Jude (Xhosa)
1
1:1b.JUD.001.001 UYuda, umkhonzi kaYesu Kristu, umzalwana ke kaYakobi, ubhalela abangcwalisiweyo bekuThixo uYise, begcinelwe uYesu Kristu, bengababiziweyo:
1:2b.JUD.001.002 uthi, Makwandiswe kuni inceba noxolo nothando.
1:3b.JUD.001.003 Zintanda, ndikukhuthalele ngenyameko yonke nje ukunibhalela ngalo usindiso esidlelana ngalo, kwafuneka ukuba ndinibhalele, ndinivuselele, ukuba niluzamele ukholo abalunikelwayo kwakanye abangcwele.
1:4b.JUD.001.004 Kuba kuthwethwe bantu bathile; abo babebalulelwe ngenxa engaphambili kolo lugwebo, abangahloneli Thixo, belujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu, bemkhanyela okuphela koMnini-nto-zonke, uThixo wethu, iNkosi yethu uYesu Kristu.
1:5b.JUD.001.005 Ndinga ke ndinganikhumbuza, nangona nikwazi oku kakade, ukuba iNkosi, yakuba ibasindisile abantu emhlabeni waseYiputa, yathi ngokwesibini yabatshabalalisa abo bangakholwanga.
1:6b.JUD.001.006 Kananjalo izithunywa zezulu, ezo zazingalugcinanga ulawulo lwazo, zesuka zalishiya ikhaya lazo, izigcinele umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade, phantsi kwesithokothoko.
1:7b.JUD.001.007 Njengokuba iSodom neGomora, nayo imizi engakuyo, yenza kakhulu umbulo ngohlobo olufana nolwazo ezo, imka ilandela nyama yimbi, ibekwe ekuhleni ukuba ibe ngumqondiso, iviswa ubetho lomlilo ongunaphakade.
1:8b.JUD.001.008 Kwangokunjalo nabo aba baphuphayo badyobha inyama, batshitshise ubukhosi, banyelise izikhakhamela.
1:9b.JUD.001.009 Kanti yena uMikayeli, isiphatha-zithunywa zezulu, oko wayebambene naye uMtyholi, bebangisana ngawo umzimba kaMoses, akabanga nabuganga bakumzisela mgwebo wakunyelisa; wesuka wathi, INkosi mayikukhalimele.
1:10b.JUD.001.010 Ke bona aba okunene izinto zonke abangazaziyo bayazinyelisa; kodwa izinto zonke abazaziyo kakuhle ngemvelo, njengezinto eziphilileyo ezingenangqondo, bayazonakalisa ngazo ezo.
1:11b.JUD.001.011 Yeha ke bona! Ngokuba bahamba ngendlela kaKayin; bakhukuliswa lulahlekiso lukaBhileham ngenxa yomvuzo; batshabalala ephikeni likaKora.
1:12b.JUD.001.012 Aba zizixhobo zamatye aselwandle ezidlweni zenu zothando, bezingxala ukudla nani, bezidlisa okwabo ngokungenakoyika. Bangamafu angenamanzi, aqhutywaqhutywa yimimoya; bayimithi evuthulukileyo, engenaziqhamo, efe kabini, enyothulwe iingcambu;
1:13b.JUD.001.013 bangamaza alwayo olwandle, elephuza awawo amahlazo; baziinkwenkwezi eziphalaphalayo, begcinelwe isithokothoko sobumnyama ngonaphakade.
1:14b.JUD.001.014 Waprofeta ke nangabo uEnoki, owesixhenxe ukususela kuAdam, esithi, Yabonani, yeza iNkosi namawakawaka abangcwele bayo,
1:15b.JUD.001.015 ukuba ibagwebe bonke, ibohlwaye bonke abangahloneli Thixo kubo, ngenxa yemisebenzi yabo yonke yokungahloneli Thixo, abayenze bengahloneli Thixo, nangenxa yazo zonke izinto ezilukhuni, ababezithethile ngayo aboni abangahloneli Thixo.
1:16b.JUD.001.016 Aba ngabakrokri abasolayo, behamba ngokweenkanuko zabo, umlomo wabo uthetha iindumbisa zamazwi, bencoma ubuso bomntu ngenxa yenzuzo.
1:17b.JUD.001.017 Ke nina, zintanda, wakhumbuleni amazwi abethethwe ngenxa engaphambili ngabo abapostile beNkosi yethu uYesu Kristu.
1:18b.JUD.001.018 Ngokuba babesithi kuni, Kuya kubakho abagxeki ngexesha lokugqibela, behamba ngokwezabo iinkanuko zokungahloneli Thixo.
1:19b.JUD.001.019 Aba ngabazahlukanisayo, bengabemvelo, uMoya bengenaye.
1:20b.JUD.001.020 Ke nina, zintanda, zakheni elukholweni lwenu olungcwele kanye, nithandaza nikuMoya oyiNgcwele.
1:21b.JUD.001.021 Hlalani nihleli eluthandweni lukaThixo, niyilinde inceba yeNkosi yethu uYesu Kristu, kuse ebomini obungunaphakade.
1:22b.JUD.001.022 Inxenye okunene yenzeleni inceba, nicalula;
1:23b.JUD.001.023 kodwa inxenye yisindiseni nizoyikela, nibaphanga emlilweni, niyithiya nengubo edyojiweyo yinyama.
1:24b.JUD.001.024 Kulowo ke unako ukunilondoloza ningabi nakukhubeka, nokunimisa phambi kobuqaqawuli bakhe ningenabala, nigcoba:
1:25b.JUD.001.025 kuThixo olumkileyo yedwa, uMsindisi wethu, makubekho uzuko nobukhulu, amandla negunya, nangoku, kude kuse nasemaphakadeni onke. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Jude (Xhosa). Jude (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C436-E