3 John (Xhosa)

3 John (Xhosa)

1

1:1b.3JO.001.001 Indoda enkulu ibhalela uGayo oyintanda, endimthandayo mna ngenyaniso: ithi,

1:2b.3JO.001.002 Ntanda, ndinga ungathi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho.

1:3b.3JO.001.003 Kuba ndavuya kunene, bakufika abazalwana, bangqina ngenyaniso ekuwe, njengokuba wena uhamba enyanisweni.

1:4b.3JO.001.004 Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.

1:5b.3JO.001.005 Ntanda, wenza okuthembekileyo, oko sukuba ukwenzela abazalwana nabasemzini,

1:6b.3JO.001.006 abalungqineleyo uthando lwakho phambi kwebandla; owothi ukuba ubaxhobisele indlela ngokufanele uThixo, ube uyatyapha;

1:7b.3JO.001.007 kuba baphuma ngenxa yegama lakhe, bengathabathanga nto kuzo iintlanga.

1:8b.3JO.001.008 Thina ngoko sifanele ukubaxhasa abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso.

1:9b.3JO.001.009 Ndalibhalela ibandla; ke usuke lowo uthanda ukuzenza mkhulu kubo, uDiyotrefe, angasamkeli.

1:10b.3JO.001.010 Ngenxa yoko, ukuba ndithe ndafika, ndomkhumbuza imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, usuka angabamkeli abazalwana ngokwakhe, abalele abanga bangenjenjalo, abakhuphe ebandleni.

1:11b.3JO.001.011 Ntanda, musa ukulandela okubi, landela okulungileyo. Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo; ke lowo wenza okubi akambonanga uThixo.

1:12b.3JO.001.012 UDemetriyo ungqinelwe ngabo bonke, nayiyo inyaniso; nathi ke siyangqina; niyazi ukuba ubungqina bethu buyinene.

1:13b.3JO.001.013 Ndandinezinto ezininzi endingazibhalayo, kodwa andithandanga kuzibhala ngainki nangalusiba;

1:14b.3JO.001.014 ndiyathemba ke ukuba ndokubona kwakufuphi nje, sithethe ngomlomo. Uxolo malube kuwe. Ziyakubulisa izihlobo. Zibulise izihlobo ngegama. Amen.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. 3 John (Xhosa). 3 John (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C433-1