1 John (Xhosa)
1
1:1b.1JO.001.001 Oko kwakukho kwasekuqalekeni, oko sikuvileyo, oko sikubonileyo ngawethu amehlo, oko sakukhangelayo, zakuphatha izandla zethu, okwelizwi labo ubomi
1:2b.1JO.001.002 (obu bomi ke babonakaliswa; sibubonile, siyabungqinela, siyabuxela kuni, ubomi obo bungunaphakade, bona obo bebukuye uYise, baza babonakaliswa kuthi):
1:3b.1JO.001.003 oko ke sikubonileyo, sikuvileyo, siyakuxela kuni, ukuze nani nibe nobudlelane nathi. Baye ke ubudlelane bethu bunaye uYise, bunaye uNyana wakhe uYesu Kristu.
1:4b.1JO.001.004 Ezo zinto sinibhalela ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.
1:5b.1JO.001.005 Lulo olu ke udaba esiluvileyo kuye, esinityela lona, lokuba uThixo ukukukhanya, akukho bumnyama kuye nakanye.
1:6b.1JO.001.006 Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso;
1:7b.1JO.001.007 ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana Wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono.
1:8b.1JO.001.008 Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi.
1:9b.1JO.001.009 Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.
1:10b.1JO.001.010 Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi.
2
2:1b.1JO.002.001 Bantwanana bam, ndinibhalela ezi zinto, ukuze ningoni. Ukuba kukho othe wona, sinoMthetheleli kuye uYise, uYesu Kristu ilungisa.
2:2b.1JO.002.002 Yena usisicamagushelo sezono zethu; engesazethu zodwa, usiso nesehlabathi liphela.
2:3b.1JO.002.003 Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe.
2:4b.1JO.002.004 Lowo uthi, Ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso.
2:5b.1JO.002.005 Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye.
2:6b.1JO.002.006 Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye.
2:7b.1JO.002.007 Bazalwana, andinibhaleli mthetho mtsha; ngumthetho omdala, ebeninawo kwasekuqalekeni. Umthetho omdala ke lilizwi enalivayo kwasekuqalekeni.
2:8b.1JO.002.008 Ndibuya ndinibhalele umthetho omtsha, okuyinene oko kuye nakuni; ngokuba ubumnyama buyadlula, kwaye ukukhanya okuyinyaniso sekubonakala.
2:9b.1JO.002.009 Lowo uthi usekukhanyeni, abe emthiyile umzalwana wakhe, usebumnyameni unangoku.
2:10b.1JO.002.010 Lowo umthandayo umzalwana wakhe uhleli ekukhanyeni, akanasikhubekiso.
2:11b.1JO.002.011 Ke lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usebumnyameni, uhamba ebumnyameni. Akazi apho aya khona, ngokuba ubumnyama buwamfamekisile amehlo akhe.
2:12b.1JO.002.012 Ndiyanibhalela, bantwanana, ngokuba nizixolelwe izono zenu ngenxa yegama lakhe.
2:13b.1JO.002.013 Ndiyanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndiyanibhalela, madodana, ngokuba nimeyisile ongendawo. Ndiyanibhalela, bantwana, ngokuba nimazile uYise.
2:14b.1JO.002.014 Ndanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndanibhalela, madodana, ngokuba nomelele, laye ilizwi likaThixo lihleli kuni, nimoyisile ke ongendawo.
2:15b.1JO.002.015 Musani ukulithanda ihlabathi, kwanezinto ezisehlabathini. Ukuba kukho othi alithande ihlabathi, uthando lukaYise alukho kuye.
2:16b.1JO.002.016 Ngokuba konke okusehlabathini, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi, asikokuphuma kuye uYise, kokuphuma ehlabathini.
2:17b.1JO.002.017 Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.
2:18b.1JO.002.018 Bantwana, lilixa lokugqibela eli; njengoko nevayo ukuba umchasi-Kristu uyeza, nangoku kuthe kwabakho abachasi-Kristu abaninzi, ekuthe ngoko sazi ukuba lilixa lokugqibela.
2:19b.1JO.002.019 Baphuma kuthi, babengengabo abethu; kuba, ukuba babengabethu, ngebahlalayo nathi. Baphuma ukuze babonakale, ukuba bonke babengengabo abethu.
2:20b.1JO.002.020 Nina ninentambiso evela koyiNgcwele, niyazazi ke izinto zonke.
2:21b.1JO.002.021 Andinibhalelanga ngakuba ningayazi inyaniso; ndinibhalele ngokuba niyazi, nangokuba kungekho buxoki buphuma enyanisweni.
2:22b.1JO.002.022 Ngubani na ixoki, ingenguye okhanyelayo ukuba uYesu unguye uKristu? Lowo ungumchasi-Kristu, omkhanyelayo uYise noNyana.
2:23b.1JO.002.023 Bonke abamkhanyelayo uNyana, abanaye noYise.
2:24b.1JO.002.024 Nina ngoko, oko nakuvayo kwasekuqalekeni makuhlale kuni. Ukuba kuthi kuhlale kuni oko nakuvayo kwasekuqalekeni, nani niya kuhlala kuye uNyana, nakuye uYise.
2:25b.1JO.002.025 Lilo eli idinga, awalibekayo ngokwakhe kuthi, ubomi obungunaphakade.
2:26b.1JO.002.026 Ezo zinto ndinibhalele ngabo banilahlekisayo.
2:27b.1JO.002.027 Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, aniswele kwakuba nifundiswe ngubani; kunjengokuba kwaloo ntambiso inifundisa ngeento zonke, iyinene, ingebuxoki; njengokuba ke yanifundisayo, hlalani kuye.
2:28b.1JO.002.028 Ngoku ke, bantwanana, hlalani kuye, ukuze xa athe wabonakalaliswa, sibe nokungafihlisi singadani, simbaleke ekufikeni kwakhe.
2:29b.1JO.002.029 Ukuba niyazi ukuba ulilungisa, yazini ukuba bonke abenza ubulungisa bazelwe nguye.
3
3:1b.1JO.003.001 Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena.
3:2b.1JO.003.002 Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo.
3:3b.1JO.003.003 Bonke abanalo eli themba kuye, bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu.
3:4b.1JO.003.004 Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho; sona isono sikukuchasana nomthetho.
3:5b.1JO.003.005 Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu; kananjalo akukho sono kuye.
3:6b.1JO.003.006 Bonke abahlala kuye aboni; bonke abonayo abambonanga, abamazanga nokumazi.
3:7b.1JO.003.007 Bantwanana, makungabikho namnye unikhohlisayo; lowo ubenzayo ubulungisa lilungisa, njengokuba yena elilungisa.
3:8b.1JO.003.008 Lowo usenzayo isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi wone kwasekuqalekeni. Wabonakaliselwa oku uNyana kaThixo, ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi.
3:9b.1JO.003.009 Bonke abazelwe nguThixo abenzi sono, ngokuba imbewu yakhe ihleli kubo; kananjalo abanakona, ngokuba bezelwe nguThixo.
3:10b.1JO.003.010 Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.
3:11b.1JO.003.011 Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane;
3:12b.1JO.003.012 singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe. Wambulalelani na? Ngokuba imisebenzi yakhe ibingendawo, ke yona eyomninawa wakhe ibinobulungisa.
3:13b.1JO.003.013 Musani ukumangaliswa, bazalwana bam, ukuba ihlabathi linithiyile.
3:14b.1JO.003.014 Thina siyazi ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni.
3:15b.1JO.003.015 Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu; niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi bungunaphakade buhleliyo kuso.
3:16b.1JO.003.016 Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu.
3:17b.1JO.003.017 Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe?
3:18b.1JO.003.018 Bantwanana bam, masingathandi ngazwi nangamlomo; masithande ngezenzo nangenyaniso.
3:19b.1JO.003.019 Siyazi ngale nto ke ukuba singabenyaniso; siya kuzileleza iintliziyo zethu phambi kwakhe.
3:20b.1JO.003.020 Ngokuba ukuba intliziyo yethu iyasigweba, uThixo mkhulu kunentliziyo yethu, ezazi izinto zonke.
3:21b.1JO.003.021 Zintanda, ukuba intliziyo yethu ayisigwebi, sinokungafihlisi kuye uThixo;
3:22b.1JO.003.022 nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe.
3:23b.1JO.003.023 Nguwo lo umthetho wakhe, ukuba sikholwe ligama lonyana wakhe, uYesu Kristu, sithandane njengoko wasiwiselayo umthetho.
3:24b.1JO.003.024 Lowo uyigcinayo imithetho yakhe uhleli kuye, naye uhleli kulowo. Sazi ngale nto ke, ukuba uhleli kuthi ngoMoya lo wasinikayo.
4
4:1b.1JO.004.001 Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphume bangena ehlabathini.
4:2b.1JO.004.002 Mazini ngale nto uMoya kaThixo: umoya wonke omvumayo uYesu Kristu eze esenyameni, ungokaThixo;
4:3b.1JO.004.003 nomoya wonke ongamvumiyo uYesu Kristu eze esenyameni, asingokaThixo; lo ngokamchasi-Kristu, lowo niwuvileyo ukuba uyeza; nangoku uselukho ehlabathini.
4:4b.1JO.004.004 Nina ningabakaThixo, bantwanana, nibeyisile bona; ngokuba lowo ukuni nguyena mkhulu kunalowo usehlabathini.
4:5b.1JO.004.005 Bona ngabehlabathi; ngenxa yoko bathetha okwehlabathi, ihlabathi liyabeva ke.
4:6b.1JO.004.006 Thina singabakaThixo, lowo umaziyo uThixo uyasiva thina; ongengokaThixo akasiva. Siwazi ngaloo nto umoya wayo inyaniso, nomoya walo ulahlekiso.
4:7b.1JO.004.007 Zintanda, masithandane; ngokuba uthando lwaphuma kuThixo. Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo.
4:8b.1JO.004.008 Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando.
4:9b.1JO.004.009 Kwabonakaliswa ngale nto ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo amthume ehlabathini uNyana wakhe, ekuphela kwamzeleyo, ukuze sidle ubomi naye.
4:10b.1JO.004.010 Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina, ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.
4:11b.1JO.004.011 Zintanda, ukuba wenjenjalo uThixo ukusithanda, nathi sifanele ukuthandana.
4:12b.1JO.004.012 Akukho namnye owakha wambona uThixo; ukuba sithi sithandane, uThixo uhleli kuthi, nothando lwakhe lugqibelele ngaphakathi kwethu.
4:13b.1JO.004.013 Sazi ngale nto ukuba sihleli kuye, naye uhleli kuthi; ngokuba usinike okoMoya wakhe.
4:14b.1JO.004.014 Sibonile thina, siyangqina, ukuba uYise umthumile uNyana ukuba nguMsindisi wehlabathi.
4:15b.1JO.004.015 Othe wavuma ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo, uThixo uhleli kuye, naye uhleli kuye uThixo.
4:16b.1JO.004.016 Sikwazile thina, sakholwa kukusithanda kukaThixo. UThixo uluthando; lowo uhleli eluthandweni uhleli kuye uThixo, noThixo uhleli kuye.
4:17b.1JO.004.017 Lugqibelele ngale nto uthando olukuthi, ukuze sibe nokungafihlisi ngomhla womgwebo; ngokuba, njengoko anjalo yena, sinjalo nathi kweli hlabathi.
4:18b.1JO.004.018 Akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko; ngokuba uloyiko lunexhala; lowo ke woyikayo akagqibelele eluthandweni.
4:19b.1JO.004.019 Thina siyamthanda, ngokuba yena wasithanda kuqala.
4:20b.1JO.004.020 Ukuba umntu uthe, Ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angathini na ukumthanda uThixo angambonanga?
4:21b.1JO.004.021 Nguwo lo umthetho esinawo uvela kuye: ukuba athi lowo umthandayo uThixo, amthande nomzalwana wakhe.
5
5:1b.1JO.005.001 Bonke abakholwayo ukuba uYesu unguye uKristu, bazelwe nguThixo; bonke abamthandayo lowo wazalayo, bayamthanda nalowo uzelweyo nguye.
5:2b.1JO.005.002 Sazi ngale nto ukuba siyabathanda abantwana bakaThixo, xa sukuba simthanda uThixo, siyigcina imithetho yakhe.
5:3b.1JO.005.003 Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe.
5:4b.1JO.005.004 Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu.
5:5b.1JO.005.005 Ngubani na lowo uleyisayo ihlabathi, ingenguye okholwayo ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo?
5:6b.1JO.005.006 Lowo ngulo wezayo ngamanzi negazi, uYesu Kristu; engenawo amanzi odwa, enawo amanzi, enalo igazi. UMoya ke ungulo ungqinayo, ngokuba uMoya uyiyo inyaniso.
5:7b.1JO.005.007 Ngokuba bathathu abo bangqinayo emazulwini: uYise, noLizwi, noMoya oyiNgcwele; abo bathathu banye.
5:8b.1JO.005.008 Bathathu abo bangqinayo emhlabeni : uMoya, namanzi, negazi; aba bathathu basingise ntweni-nye.
5:9b.1JO.005.009 Ukuba ubungqina babantu siyabamkela, ubungqina bukaThixo bungaphezulu; ngokuba bubo obu ubungqina bukaThixo, angqinele uNyana wakhe ngabo.
5:10b.1JO.005.010 Lowo ukholwayo kuye uNyana kaThixo unabo ubungqina ngaphakathi kwakhe; lowo ungakholwayo nguye uThixo umenze ixoki, ngokuba engakholwanga bubo ubungqina abungqinele uNyana wakhe uThixo.
5:11b.1JO.005.011 Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe.
5:12b.1JO.005.012 Lowo unaye uNyana, unabo ubomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo, akanabo ubomi.
5:13b.1JO.005.013 Ndinibhalele ezi zinto, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuze nazi ukuba ninobomi obungunaphakade, nokuze nikholwe kwigama loNyana kaThixo.
5:14b.1JO.005.014 Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva.
5:15b.1JO.005.015 Ukuba siyazi okokuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye.
5:16b.1JO.005.016 Ukuba umntu uthe wambona umzalwana wakhe esona isono esingasingisi kufeni, wocela, uThixo amnike ubomi, enika abo bonayo ngokungasingisi kufeni. Kukho sona sisingisa ekufeni; anditsho ukuthi makacelele sona.
5:17b.1JO.005.017 Konke ukungalungisi sisono; kukho sono singasingisi khona ekufeni.
5:18b.1JO.005.018 Siyazi ukuba bonke abazelwe nguThixo aboni; usuke athi lowo wazalwayo nguThixo azigcine, aze ongendawo angamchukumisi.
5:19b.1JO.005.019 Siyazi ukuba singabakaThixo, nokuba ihlabathi liphela lilele kongendawo.
5:20b.1JO.005.020 Ke siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile, wasinika ingqondo, ukuze simazi oyinyaniso. Sikuye ke oyinyaniso, kuye uNyana wakhe uYesu Kristu. Nguye lo uThixo oyinyaniso, nobomi obungunaphakade.
5:21b.1JO.005.021 Bantwanana, zigcineni kuzo izithixo. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. 1 John (Xhosa). 1 John (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C42D-9