2 Peter (Xhosa)

2 Peter (Xhosa)

1

1:1b.2PE.001.001 USimon Petros, umkhonzi nompostile kaYesu Kristu, ubhalela abo baluzuzileyo ukholo oluxabiso lunye nolwethu, ebulungiseni bukaThixo wethu, uMsindisi wethu uYesu Kristu:

1:2b.2PE.001.002 uthi, Makwandiswe kuni ubabalo noxolo, ngokumazi uThixo, noYesu, iNkosi yethu.

1:3b.2PE.001.003 Nibona nje, ukuba amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima.

1:4b.2PE.001.004 Esithe ngezo zinto, saphiwa amadinga amakhulukazi, anqabileyo, ukuze ngawo nibe ngamadlelane ngemvelo yobuThixo, nisinde ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenkanuko.

1:5b.2PE.001.005 Ewe, ngenxa yoko, nakuba niqokele ukukhuthala konke, yithini elukholweni lwenu nongezelele isidima; esidimeni ke, ukwazi;

1:6b.2PE.001.006 ekwazini ke, ukuzeyisa; ekuzeyiseni ke, umonde; emondeni ke, ukuhlonela uThixo;

1:7b.2PE.001.007 ekuhloneleni ke uThixo, ukuthanda abazalwana; ekuthandeni ke abazalwana, ukuthanda abantu bonke.

1:8b.2PE.001.008 Kuba xa zikhoyo ezo zinto kuni, zisanda, zinenza ukuba ninganqeni, ningabi ngabaswele isiqhamo ekuyazini iNkosi yethu uYesu Kristu.

1:9b.2PE.001.009 Kuba lowo zingekhoyo kuye ezo zinto, uyimfama; ubona luzizi, ekulibele ukuhlanjululwa kwezono zakhe zakudala.

1:10b.2PE.001.010 Endithi ngoko, bazalwana, makube kukhona nikhuthalele ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; kuba, nakuzenza ezo zinto, anisayi kukha nikhubeke.

1:11b.2PE.001.011 Kuba ngokunjalo nophiwa ngokobutyebi ukungena ebukumkanini obungunaphakade beNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu.

1:12b.2PE.001.012 Kungoko ndingakuyekiyo ukuhlala ndinikhumbuza ngezo zinto, noko nizaziyo, nizimasekileyo enyanisweni leyo ikhoyo kuni.

1:13b.2PE.001.013 Ndiba ke kububulungisa, ukuba ngalo gama ndikulo mnquba, ndinivuse ngokunikhumbuza;

1:14b.2PE.001.014 ndisazi nje ukuba kukufuphi ukubekwa nxamnye kwalo mnquba wam, njengokuba nayo iNkosi yethu uYesu Kristu yandazisayo.

1:15b.2PE.001.015 Kananjalo ndiya kukhuthalela ke ukuba nibe nako, amaxa onke emva kokumka kwam, ukuzikhunjuzwa ezo zinto.

1:16b.2PE.001.016 Kuba sithe, singalandelanga zintsomi zabuqhinga, sanazisa amandla nokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu; sithe saba ngababoneli bobungangamsha bakhe.

1:17b.2PE.001.017 Kuba wamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, ekuzisweni kuye, bubuqaqawuli obubalaseleyo, izwi elinjengeli: Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo mna nguye.

1:18b.2PE.001.018 Nelo zwi ke saliva thina, lisiza liphuma ezulwini, sinaye entabeni leyo ingcwele.

1:19b.2PE.001.019 Kanjalo sinalo nelona lizwi liqinisekileyo elilelobuprofeti, enityaphayo ukulinyamekela, linjengesibane esikhanyisa endaweni emnyama, kude kuse, liphume ikhwezi ezintliziyweni zenu;

1:20b.2PE.001.020 nisazi oku kuqala, ukuba sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela.

1:21b.2PE.001.021 Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.

2

2:1b.2PE.002.001 Ke kaloku, kwakukho nabaprofeti ababuxoki phakathi kwabantu; njengokuba naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, bezizisela intshabalalo emsinya.

2:2b.2PE.002.002 Baninzi abaya kulandela intshabalalo yabo; eya kunyeliswa ngenxa yabo indlela yenyaniso.

2:3b.2PE.002.003 Bathi benokubawa, banibonelele ngamazwi alalanisayo; abakugwetywa kungaphumliyo kwakudala, nayo intshabalalo yabo ayozeli.

2:4b.2PE.002.004 Kuba, xa uThixo angaziconganga izithunywa zezulu ezonayo, wesuka wathi, ezikhahlele enzonzobileni, wazinikela emixokelelwaneni yesithokothoko, zigcinelwe umgwebo;

2:5b.2PE.002.005 naxa angaliconganga ihlabathi lakudala, wesuka walondoloza uNowa, umvakalisi wobulungisa, enabasixhenxe, akuba elihlisele unogumbe ihlabathi labangahloneli Thixo;

2:6b.2PE.002.006 xa athe nemizi yaseSodom neGomora wayitshisa yaluthuthu, wayigweba ukuba ibhukuqeke, wayenza umzekelo wabaza kuba ngabangahloneli Thixo;

2:7b.2PE.002.007 wamhlangula uLote olilungisa, owacatshukiswa kukuhamba eburheletyweni kwabangenammiselo;

2:8b.2PE.002.008 kuba laye, ngokubona nangokuva, ilungisa elo lihleli phakathi kwabo imihla ngemihla, liwuthuthumbisa umphefumlo walo olungisayo, ngemisebenzi yabo echasene nomthetho;

2:9b.2PE.002.009 iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo; ke abangemalungisa ibagcinele imini yomgwebo, ukuba babethwe;

2:10b.2PE.002.010 ngokukodwa ke abo balandela inyama ngokukhanuka ukuzidyobha, abadela ubukhosi. Ngabasileyo, abenza ngokuzithandela, abangoyikiyo ukunyelisa izikhakhamela.

2:11b.2PE.002.011 Ukanti izithunywa zezulu, zingaphezulu nje ngokomelela namandla, azizigwebi ngamgwebo unyelisayo phambi kweNkosi.

2:12b.2PE.002.012 Ke aba, njengezinto eziphilileyo, ezingenangqondo, ezizezemvelo, ezizalelwe ukubanjwa nokonakala, benyelisa izinto abangazaziyo, baya konakala kanye ekonakaleni kwabo, bazuzane nomvuzo wokungalungisi;

2:13b.2PE.002.013 njengababa bubuyolo ukudla ubuncwane okwemini enye; bengamabala neziphako, bexhamla ubuncwane ngokulukuhla kwabo, bezingxala ukudla ezidlweni nani;

2:14b.2PE.002.014 benamehlo azele lukrexezo, angenakuphunyuzwa esonweni, bebambisa imiphefumlo engenakuzimaseka, benentliziyo eqheliswe ukubawa; abantwana bengqalekiso.

2:15b.2PE.002.015 Beyishiyile indlela ethe tye, balahleka, belandela indlela kaBhileham okaBhehore, owathanda umvuzo wokungalungisi;

2:16b.2PE.002.016 wohlwaywa ke ngokugqitha kwakhe umthetho; lathi iesile, lingenakuthetha nje, lathetha ngezwi lomntu, lamalela umprofeti lowo, ukuba angabi nxamnye nengqondo.

2:17b.2PE.002.017 Aba bayimithombo engenamanzi, amafu aqhutywa luqhwithela, besigcinelwe bona isithokothoko sobumnyama ngonaphakade.

2:18b.2PE.002.018 Kuba, bevakalisa nje iindumbisa zamazwi angento yanto, babambisa ngeenkanuko zenyama, ngoburheletyo, abo babesindile, kanye kwabo bahambayo ekulahlekisweni.

2:19b.2PE.002.019 Bebathembisa nje inkululeko, bona ngokwabo bangabakhonzi bokonakala; kuba lowo athi ubani eyiswe nguye, ukhonzisiwe nokukhonziswa kuye.

2:20b.2PE.002.020 Kuba xa bathi, besindile nje kuzo izidyobho zehlabathi ngokuyazi iNkosi, uMsindisi uYesu Kristu, babuye ke bazibhijele ngazo, boyiswe zizo, zisuke iziphelo zabo zaba mandundu kuneziqalo zabo.

2:21b.2PE.002.021 Kuba ngekubalungele kanye, ukuba bebengayazanga indlela yobulungisa, kunokuba bathi beyazile, babuye umva, baphume kuwo umthetho ongcwele abawuwiselwayo.

2:22b.2PE.002.022 Bahlelwe ke ngokomlinganiselo oyinene, othi, Inja ibuyele emhlanzweni wayo, nehagukazi eyahlanjwayo iye ekuzityikatyikeni eludakeni.

3

3:1b.2PE.003.001 Ngoku ndinibhalela, zintanda, le ncwadi iyeyesibini, endithi kuzo zombini ndiyivuselele ingqondo yenu engcwengekileyo ngokunikhumbuza;

3:2b.2PE.003.002 ukuba niwakhumbule amazwi abethethiwe ngenxa engaphambili ngabaprofeti abangcwele, nawo umthetho wabapostile bethu beNkosi uMsindisi;

3:3b.2PE.003.003 nikwazi nje oku kuqala, ukuba kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko,

3:4b.2PE.003.004 besithi, Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.

3:5b.2PE.003.005 Kuba oku kufihlakele kubo ngokuthanda kwabo, ukuba izulu laye likho kwakudala, nomhlaba uvele emanzini, umi ngamanzi, ngalo ilizwi likaThixo;

3:6b.2PE.003.006 elathi ngezo zinto ihlabathi langoko lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala.

3:7b.2PE.003.007 Ke lona izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.

3:8b.2PE.003.008 Le nto ke inye mayingafihlakali kuni, zintanda, ukuba phambi kweNkosi imini enye injengeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye.

3:9b.2PE.003.009 INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.

3:10b.2PE.003.010 Iya kufika ke imini yeNkosi njengesela ebusuku, eliya kuthi ngayo izulu lidlule liqhuqhumba, zithi ke iziqalelo zitshe, zichithakale, nomhlaba nayo imisebenzi ekuwo itshiswe kuthi tu.

3:11b.2PE.003.011 Ezo zinto zonke ngoku zichithakala nje, nimele ukuba ngabanjani na ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo;

3:12b.2PE.003.012 nikulindela, nikukhawulezela, ukufika kwayo imini kaThixo, eliya kuthi ngenxa yayo izulu lifakwe isikhuni, lichithakale, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike?

3:13b.2PE.003.013 Thina ke ngokwedinga lakhe silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.

3:14b.2PE.003.014 Kungoko, zintanda, nilindele ezo zinto nje, khuthalelani ukuba nifunyanwe kuye niseluxolweni, ningenabala, ningenasiphako.

3:15b.2PE.003.015 Ukuzeka kade umsindo kweNkosi yethu kubaleleni ekuthini lusindiso, njengoko wanibhalelayo nomzalwana wethu oyintanda, uPawulos, ngokobulumko awabunikwayo;

3:16b.2PE.003.016 njengokuba, nasezincwadini zakhe zonke, ethetha kuzo ngezo ndawo; ekukhoyo kuzo zithile ziqiqeka nzima, abathi abangafundileyo, nabangazimasekileyo, bazigqwethele kokwabo ukutshabalala, njengokuba bezenjenjalo nezinye izibhalo.

3:17b.2PE.003.017 Nina ngoko, zintanda, nizazi nje ngenxa engaphambili ezo zinto, zigcineni okwenu, ukuze ningathi, nikhukuliswe lulahlekiso lwabangenammiselo, niphalale kokukokwenu ukuqina.

3:18b.2PE.003.018 Khulani ke elubabalweni na sekuyazini iNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu. Kuye malubekho uzuko nangoku, kuse nakwimini engunaphakade. Amen.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. 2 Peter (Xhosa). 2 Peter (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C42A-C