Hebrews (Xhosa)
1
1:1b.HEB.001.001 UThixo wayethethile nje kudala ngeendawo ezininzi, nangeendlela ezininzi, koobawo ngabo abaprofeti, uthethe ngale mihla yokugqibela kuthi ngoNyana;
1:2b.HEB.001.002 awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wayenza indalo yonke;
1:3b.HEB.001.003 othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni;
1:4b.HEB.001.004 ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo.
1:5b.HEB.001.005 Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla? Nokuthi, Mna ndiya kuba nguYise wakhe, Yena abe nguNyana wam?
1:6b.HEB.001.006 Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.
1:7b.HEB.001.007 Okunene ngazo izithunywa zezulu uthi, Ulozenza izithunywa zakhe oomoya, Nababusi bakhe ilangatye lomlilo;
1:8b.HEB.001.008 kodwa ngaye yena uNyana uthi, Itrone yakho, Thixo, isa ephakadeni lasephakadeni; Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.
1:9b.HEB.001.009 Wathanda ubulungisa, wathiya okungendawo; Ngenxa yoko, uThixo, uThixo wakho, ukuthambise Ngeoli yomgcobo ngaphezu kowenu.
1:10b.HEB.001.010 Abuye athi, Ekuqalekeni, wena Nkosi, waliseka ihlabathi, Nalo izulu lingumsebenzi wezandla zakho;
1:11b.HEB.001.011 Wona aya kutshabalala, ke wena uhlala uhleli; Aye onke njengengubo eya konakala,
1:12b.HEB.001.012 Nanjengesambatho uya kuwasonga, Asuke abe ngawambi; Ke wena ukwanguwe, Nayo iminyaka yakho ayiyi kuphela.
1:13b.HEB.001.013 Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?
1:14b.HEB.001.014 Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso?
2
2:1b.HEB.002.001 Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo.
2:2b.HEB.002.002 Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo;
2:3b.HEB.002.003 sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana, lona lwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo baluvayo;
2:4b.HEB.002.004 uThixo engqinelana nabo ngemiqondiso kwanezimanga, nemisebenzi ngemisebenzi yamandla, nezabelo zoMoya oyiNgcwele, ngokokuthanda kwakhe?
2:5b.HEB.002.005 Kuba akalithobelanga phantsi kwezithunywa zezulu elimiweyo eliza kubakho, eli sithetha ngalo.
2:6b.HEB.002.006 Ke, wakha wangqina ubani, esithi, Uyintoni na umntu, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?
2:7b.HEB.002.007 Wamnciphisa kancina ne kunezithunywa zezulu, Wamthwesa uzuko nembeko. Wammisa phezu kwemisebenzi yezandla zakho;
2:8b.HEB.002.008 Zonke izinto wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Kuba, ekubeni wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto ezo, akashiyanga nto ingathotyelwanga phantsi kwakhe. Kukaloku ke asikaziboni zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto.
2:9b.HEB.002.009 Ke sibona lo uncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu, uYesu ke, ethe ngenxa yeentlungu zokufa wathweswa uzuko nembeko, ukuze ngobabalo lukaThixo eve ukufa ngenxa yabo bonke.
2:10b.HEB.002.010 Kuba bekumfanele lowo, ezingenxa yakhe zonke izinto ezo, nezingaye zonke izinto ezo, ekubeni ezise oonyana abaninzi eluzukweni, ukuthi ayenze ngeentlungu igqibelele imbangi yosindiso lwabo.
2:11b.HEB.002.011 Kuba lowo ungcwalisayo, kwanabo bangcwaliswayo, baphuma kumnye bonke; ekungenxa yeli thuba angenazintloni ukubabiza ngokuthi ngabazalwana,
2:12b.HEB.002.012 esithi, Ndiya kulixela igama lakho kubo abazalwana bam. Ndivume phakathi kwebandla elokudumisa wena.
2:13b.HEB.002.013 Abuye athi, Ndiya kukholosa ngaye. Abuye athi, Yabona, mna nabantwana andinike bona uThixo.
2:14b.HEB.002.014 Ekubeni ngoko abantwana abo bengamadlelane naye ngenyama negazi, wathi naye ngokwakhe ngokukwanjalo wabelana nabo ngezo zinto, ukuze ngako ukufa ambhangise lowo unamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi lo;
2:15b.HEB.002.015 abakhulule ebukhobokeni bonke abo babethe ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi bazizisulu zokoyika ukufa.
2:16b.HEB.002.016 Kuba ndithi, akathabatheli kuye zithunywa; uthabathela kuye imbewu ka-Abraham.
2:17b.HEB.002.017 Ekuthe ngoko wafanelwa kukuba afane nabazalwana bakhe ngezinto zonke, ukuze abe ngonenceba, kwanombingeleli othembekileyo omkhulu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze azicamagushele izono zabantu.
2:18b.HEB.002.018 Kuba ekubeni eve ubunzima, ehendiwe naye ngokwakhe, unako ukubasiza abahendwayo.
3
3:1b.HEB.003.001 Ndithi ngoko, bazalwana bangcwele, mabelana ngobizo lwasemazulwini, mondeleni uMpostile, uMbingeleli oMkhulu wovumo lwethu, uKristu Yesu;
3:2b.HEB.003.002 ethembekile kulowo wamenzayo, kwanjengoMoses endlwini yakhe iphela.
3:3b.HEB.003.003 Kuba lo ubalelwe ekuthini ufanelwe luzuko olungaphezu kolukaMoses; ngangokuba lowo wayakhayo indlu, enembeko engaphezu kwayo indlu.
3:4b.HEB.003.004 Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.
3:5b.HEB.003.005 Okunene noMoses ebethembekile endlwini yakhe iphela ngokomkhonzi, ukuze bube bubungqina obo bezinto eziya kuthethwa.
3:6b.HEB.003.006 Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba singaba sithe sakubamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni.
3:7b.HEB.003.007 Endithi ke, njengoko atshoyo uMoya oyiNgcwele, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,
3:8b.HEB.003.008 Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, Njengasengcaphukisweni, ngomhla wolingo entlango;
3:9b.HEB.003.009 Apho bandilingayo ooyihlo, bandicikida, Bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mane.
3:10b.HEB.003.010 Kungoko ndakruqukayo seso sizukulwana, Ndathi, Bahlala belahleka ngeentliziyo, Abazazi ke bona iindlela zam;
3:11b.HEB.003.011 Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!
3:12b.HEB.003.012 Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;
3:13b.HEB.003.013 manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.
3:14b.HEB.003.014 Kuba siba ngamabelana ngoKristu, ukuba sithe ingqalo yokukholosa kwethu sayibamba ngokuthe nkqi, sada sesa ekupheleni;
3:15b.HEB.003.015 ekubeni kusithiwa, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni.
3:16b.HEB.003.016 Kuba bathe abathile, bevile, bacaphukisa, phofu ingengabo bonke abo baphumayo eYiputa ngoMoses.
3:17b.HEB.003.017 Yayingoobani na ke awakruquka ngabo iminyaka emashumi mane? Yabingengabo na abo bonayo, bazidumbu zawayo entlango?
3:18b.HEB.003.018 Wafungela oobani na ke, ukuba abayi kungena ekuphumleni kwakhe, ingengabo abo bangevanga?
3:19b.HEB.003.019 Siyabona ke, ukuba babengenakungena, ngenxa yokungakholwa.
4
4:1b.HEB.004.001 Masoyike ngoko, hleze kuthi ekubeni kusasele idinga lokungena ekuphumleni kwakhe, kubekho bani kuni ungathi asilele.
4:2b.HEB.004.002 Kuba sizishunyayeziwe iindaba ezilungileyo kwanjengabo; lathi kodwa ilizwi lodaba, lingadibananga nje nokholo kwabo balivayo, alabanceda nto.
4:3b.HEB.004.003 Kuba thina sakholwayo, siyangena ekuphumleni, ngokoko athe, Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam! nakubeni imisebenzi yenziwayo kususela ekusekweni kwehlabathi.
4:4b.HEB.004.004 Kuba wakha wathetha ngawo umhla wesixhenxe, ukuthi, Waza waphumla uThixo ngawo umhla wesixhenxe kuyo yonke imisebenzi yakhe;
4:5b.HEB.004.005 athi kule kananjalo, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam.
4:6b.HEB.004.006 Ekubeni ngoko kusalindele ke ukuthi kubekho bathile bangenayo kuko, baye abo, bashunyayezwayo iindaba ezilungileyo kuqala, bengangenanga ngenxa yokungeva:
4:7b.HEB.004.007 ubuya amise mini ithile, esithi ngoDavide, Namhlanje, emveni kwexesha elingakanana; njengokuba kuthiwe, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu.
4:8b.HEB.004.008 Kuba uYoshuwa, ukuba ubebaphumzile, ange engabuyanga athethe ngawo omnye umhla.
4:9b.HEB.004.009 Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha.
4:10b.HEB.004.010 Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe.
4:11b.HEB.004.011 Masikhuthalele ngoko ukungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungeva.
4:12b.HEB.004.012 Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.
4:13b.HEB.004.013 Kanjalo akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; izinto zonke ke zize, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye.
4:14b.HEB.004.014 Ngoko, sinombingeleli omkhulu nje ocande emazulwini, UYesu ke, uNyana kaThixo, masilubambe uvumo lwethu.
4:15b.HEB.004.015 Kuba asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, sinowahendwayo ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono.
4:16b.HEB.004.016 Masisondlele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba, sifumane ubabalo lokusiza ngexesha elililo.
5
5:1b.HEB.005.001 Kuba wonke umbingeleli omkhulu, engovele ebantwini nje, umiselwa abantu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze asondeze iminikelo kwanamadini ngenxa yezono;
5:2b.HEB.005.002 enokuthantamisa kwabangazi nto nabalahlekayo, ekubeni naye ngokwakhe enxitywe ubulwelwe.
5:3b.HEB.005.003 Ngenxa yabo ke ufanelwe kukuthi, njengokuba esondezela abantu, kwangokunjalo azisondezele amadini ngenxa yezono.
5:4b.HEB.005.004 Kanjalo akukho mntu uzithabathela ngokwakhe imbeko leyo; oyithabathayo ngobizwe nguThixo, kwanjengoAron.
5:5b.HEB.005.005 Ngokunjalo naye uKristu akazizukisanga ngokwakhe, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu; wazukiswa ngowathethayo kuye, wathi, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla;
5:6b.HEB.005.006 njengokuba esithi nakwenye indawo, Wena ungumbingeleli ngonaphakade, Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
5:7b.HEB.005.007 Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo.
5:8b.HEB.005.008 Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo;
5:9b.HEB.005.009 waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo,
5:10b.HEB.005.010 ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
5:11b.HEB.005.011 Esineendawo ezininzi zokuthetha ngaye, ezilukhuni ukuchazwa, ekubeni nina naba buthuntu iindlebe.
5:12b.HEB.005.012 Kuba, nakuba benifanele ukuba ngabafundisi, ngenxa yokuba sekumzuzu nakholwayo, nibuye naswela umntu wokunifundisa iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo; nesuka naba ngabafanele ukusezwa amasi, anaba ngabafanele ukudla okuqinileyo.
5:13b.HEB.005.013 Kuba bonke abasasezwa amasi abanamava elizwi lobulungisa, kuba beziintsana.
5:14b.HEB.005.014 Kokwabakhulileyo ke ukudla okuqinileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.
6
6:1b.HEB.006.001 Endithi ngoko, masithi, siyeka elengqalo ilizwi elithetha ngoKristu, siqhubele kwelokukhula; singabuyi siseke ngeloguquko emisebenzini efileyo, nokukholwa kuThixo,
6:2b.HEB.006.002 ngelemfundiso yeembhaptizo, neyokubekwa izandla, neyovuko lwabafileyo, neyogwebo olungunaphakade.
6:3b.HEB.006.003 Oko ke sokwenza, ukuba angaba uthe uThixo wavuma.
6:4b.HEB.006.004 Kuba abo bakha bakhanyiselwa, basiva isipho sasemazulwini, baba ngamadlelana ngoMoya oyiNgcwele,
6:5b.HEB.006.005 bayiva incasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho,
6:6b.HEB.006.006 baza babuya bakreqa: akunakwenzeka ukuba babuye bahlaziyelwe enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhleni.
6:7b.HEB.006.007 Kuba umhlaba lo, uyiselayo imvula eza futhi phezu kwawo, uvelise imifuno elungele bona abo ulinywa nokulinywa ngenxa yabo, wamkela intsikelelo kuThixo;
6:8b.HEB.006.008 ke, othi uvelise imithana enameva neenkunzane, awunto yanto, ukufuphi nengqalekiso; esiphelo sisa ekutshisweni.
6:9b.HEB.006.009 Ke ngani nina, zintanda, sikholose ngelokuthi, nineendawo ezilungileyo kunezo, iindawo eziyelelene nosindiso, nakuba sisenjenje ukuthetha;
6:10b.HEB.006.010 kuba akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe, nabalungiselelayo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela.
6:11b.HEB.006.011 Sinqwenela ke, ukuba ulowo kuni alubonakalalise kwaolo lukhuthalo, asingise kwinzaliseko yethemba, ade ase ekupheleni, ukuze ningabi ngababuthuntu;
6:12b.HEB.006.012 ke nibe ngabaxelisa abo bathi, ngokholo nangokunyamezela, bawadla ilifa amadinga.
6:13b.HEB.006.013 Kuba wathi uThixo, akumbeka ngedinga uAbraham, ekubeni bekungekho namnye umkhulu kunaye angamfungayo, wazifunga yena,
6:14b.HEB.006.014 esithi, Inene, ndiya kuthi, ndisikelela, ndikusikelele; ndithi, ndisandisa, ndikwandise.
6:15b.HEB.006.015 Waza ngokunjalo, enokunyamezela, walifumanisa idinga.
6:16b.HEB.006.016 Kuba abantu okunene bafunga lowo umkhulu kubo, sithi kubo isifungo siphelise yonke impikiswano, sise engqinisekweni.
6:17b.HEB.006.017 Uthe ngoko uThixo, enga angathi ngokukhona kugqithiseleyo akubonakalalise kwiindlalifa zedinga ukungaguquleki kwecebo lakhe, wasuka walamla ngesifungo;
6:18b.HEB.006.018 ukuze kuthi, ngezinto ezimbini ezingenakuguquleka, angenako ukuxoka ngazo uThixo, sithi thina, basindileyo, sabamba ithemba elibekwe phambi kwethu, sibe novuselelo olunamandla;
6:19b.HEB.006.019 ithemba ke esinalo ngokweankile yomphefumlo, linqabile, likwaqinile, lingena liye ngaphaya kwesikhuselo;
6:20b.HEB.006.020 apho umanduleli uYesu wangena khona ngenxa yethu, ethe, ngokohlobo lukaMelkitsedeke, waba ngumbingeleli omkhulu osa ephakadeni.
7
7:1b.HEB.007.001 Kuba lo Melkitsedeke, kumkani weSalem, mbingeleli kaThixo Osenyangweni, wahlangabezanayo noAbraham, ebuya evela ekubulaleni ookumkani, wamsikelela;
7:2b.HEB.007.002 awathi uAbraham wamabela nesishumi sezinto zonke (esithi okunene, ukuqala ukuthetha ngentetho evakalayo, ngukumkani wobulungisa, kodwa kamva abe nangukumkani weSalem, oko kukuthi, ngukumkani woxolo;
7:3b.HEB.007.003 engenayise, engenanina, engenamlibo wakuzalwa, engenasiqalo samihla, engenasiphelo sabomi, enziwe wafana naye uNyana kaThixo): lo uhleli engumbingeleli ngokungapheliyo.
7:4b.HEB.007.004 Bonani ke ukuba mkhulu kwalowo, wathi uAbraham umawokhulu wamnika nesishumi emaxhobeni, awona alinqatha.
7:5b.HEB.007.005 Abo okunene bakoonyana bakaLevi, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho; oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham.
7:6b.HEB.007.006 Kodwa yena, ongenamlibo wakuzalwa uphumayo kubo, ubange isishumi kuAbraham, wasikelela lowo unamadinga.
7:7b.HEB.007.007 Ke ngokungenakuphikwa, encinane into isikelelwa yeyona inkulu.
7:8b.HEB.007.008 Kananjalo apha okunene ngabantu abanokufa, abathabatha isishumi; kodwa khona apho ngongqinelweyo ukuba udla ubomi.
7:9b.HEB.007.009 Ukutsho ke ndithi, kubangwe ngoAbraham isishumi nakuLevi, lo wamkelayo izishumi;
7:10b.HEB.007.010 kuba ubesesinqeni sikayise, oko uMelkitsedeke wamhlangabezayo.
7:11b.HEB.007.011 Ke ngoko, ukuba okunene inzaliseko ibingabakho ngobubingeleli bakwaLevi (kuba abantu bewiselwe owobubingeleli umthetho), bekusafuneka ngantoni na ke, ukuba kubuye kuvele mbingeleli wumbi ngokohlobo lukaMelkitsedeke, angabizwa ngokohlobo luka-Aron?
7:12b.HEB.007.012 Kuba, ububingeleli baguqulwa nje, kufuneka ukuba kuguqulwe nomthetho.
7:13b.HEB.007.013 Kuba lowo, zithethwa ngaye ezi zinto, waye engowasizwe simbi, ebekungekho namnye kuso ubesinyamekele isibingelelo.
7:14b.HEB.007.014 Kuba kusekuhleni kanye, ukuba iNkosi yethu iphume kwesikaYuda isizwe, eso angathethanga nto ngaso uMoses ngobubingeleli.
7:15b.HEB.007.015 Kwaza kwasekuhleni ngakumbi, ukuba kuvela mbingeleli wumbi, ngokokufana noMelkitsedeke,
7:16b.HEB.007.016 ongathanga amiswe ngokomyalelo womthetho ongowenyama; wamiswa ngokwamandla obomi obungenakupheliswa.
7:17b.HEB.007.017 Kuba ungqina ngokuthi, Wena ungumbingeleli ngonaphakade, Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
7:18b.HEB.007.018 Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo
7:19b.HEB.007.019 (kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo.
7:20b.HEB.007.020 Kanjalo, ngangokuba engamiswanga, kungabangakho sifungo (kuba bona aba okunene benziwe ababingeleli kungafungwanga;
7:21b.HEB.007.021 kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye, Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya: Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke):
7:22b.HEB.007.022 ngangoko ke uYesu waba ngummeli wowona ulungileyo umnqophiso.
7:23b.HEB.007.023 Bathe bona ababingeleli baba baninzi, ngenxa yokuba ukufa kwakungavumi ukuba bahlale behleli;
7:24b.HEB.007.024 ke yena, ngenxa yokuba ehleli ngonaphakade, unobubingeleleli obungenakudlula.
7:25b.HEB.007.025 Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.
7:26b.HEB.007.026 Kuba ubesifanele umbingeleli omkhulu onjalo, ongcwele, ongenabubi, ongenabala, owahlukileyo kubo aboni, othe waba ngaphezu kwalo izulu;
7:27b.HEB.007.027 ekungafunekiyo ukuba athi imihla ngemihla, njengababingeleli abakhulu abaya, anyuse kuqala amadini ngenxa yezono ezizezakhe, andule ukunyusa ngenxa yezabantu; kuba oko wakwenza kwaba kanye, ekuzinyuseni ngokwakhe ngokwedini.
7:28b.HEB.007.028 Kuba umthetho umisa abantu benobulwelwe, babe ngababingeleli abakhulu; ke lona ilizwi lesifungo, esingasemva komthetho, limise uNyana, egqibelele ngonaphakade.
8
8:1b.HEB.008.001 Ke kaloku, eyona nto iyintloko kwezi zinto zithethwayo yile: Sinombingeleli omkhulu onje, othe wahlala phantsi ngasekunene kwetrone yobuKhulu emazulwini,
8:2b.HEB.008.002 ongumbusi wengcwele, nowomnquba wenyaniso owamiswayo yiNkosi, awamiswa ngumntu.
8:3b.HEB.008.003 Kuba wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba asondeze iminikelo kwanamadini; ekuthe ngenxa yoko kwafuneka ukuba naye lo abe nento ayisondezayo.
8:4b.HEB.008.004 Kuba okunene, ukuba ebesemhlabeni, ubengayi kukha abe mbingeleli, bekho nje ababingeleli abayisondezayo iminikelo ngokomthetho:
8:5b.HEB.008.005 bona bathi bakhonze umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini, kwanjengokuba uMoses wayehlatyelwe nguThixo, xa abeza kuwufeza umnquba; kuba wathi, Khangela ukuba uzenze zonke izinto ngokomfuziselo owawuboniswayo entabeni.
8:6b.HEB.008.006 Kodwa kungoku, uzuze umbuso ogqithiseleyo kulowo, kangangokuba engumlamleli womnqophiso olungileyo ngakumbi, wona usekwe phezu kwawona madinga alungileyo.
8:7b.HEB.008.007 Kuba, ukuba ubungenakusoleka lowo wokuqala, ubungayi kufunelwa ndawo owesibini.
8:8b.HEB.008.008 Kuba uthi kubo, esola, Yabona, kuza imihla, itsho iNkosi, Endiya kuzalisekisa phezu kwendlu kaSirayeli, naphezu kwendlu kaYuda, umnqophiso omtsha;
8:9b.HEB.008.009 Ungahambi ngokomnqophiso endawenzela ooyise, Mini ndababamba ngesandla, ukuba ndibakhuphe emhlabeni waseYiputa; Ngokuba bengahlalanga emnqophisweni wam bona, Ndaza nam andabakhathalela; itsho iNkosi;
8:10b.HEB.008.010 Ngokuba nangu wona umnqophiso, endiya kuwenzela indlu kaSirayeli Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi: Ndiya kuthi, ndiyibeke imithetho yam engqondweni yabo, Ndiyibhale ezintliziyweni zabo, Ndibe nguThixo kubo, Nabo babe ngabantu kum.
8:11b.HEB.008.011 Kanjalo abayi kukha bafundise elowo ummelwane wakhe, Elowo umzalwana wakhe, esithi, Yazi iNkosi; Ngokuba baya kundazi bonke, Bethabathela komncinane wabo, base komkhulu wabo.
8:12b.HEB.008.012 Ngokuba ndiya kukuxolela ukungalungisi kwabo, Nezono zabo, nokuchasa kwabo umthetho, ndingabi sakukhumbula.
8:13b.HEB.008.013 Ngokuthi oku, Omtsha, uwaluphalisile owokuqala. Ke loo nto yalupheleyo, yalixhego, iseyisondele ekuthini shwaka.
9
9:1b.HEB.009.001 Ke ngoko nowokuqala umnqophiso wawunezimiselo zombuso, kwanendawo engcwele yehlabathi.
9:2b.HEB.009.002 Kuba kwakhiwa umnquba lowo. Igumbi lokuqala lalinesiphatho sezibane, kwanetafile, nesiboniso sezonka; lona kuthiwa yingcwele.
9:3b.HEB.009.003 Emva ke kwesesibini isikhuselo, kwabakho umnquba lo kuthiwa yingcwele kangcwele;
9:4b.HEB.009.004 unesibingelelo segolide sokuqhumisa; nayo ityeya yomnqophiso, yalekwe ngegolide ngeenxa zonke, inesitya segolide ngaphakathi esinemana, inentonga ka-Aron eyadubulayo, inawo amacwecwe omnqophiso.
9:5b.HEB.009.005 Ke ngaphezu kwayo kwema iikerubhi zobuqaqawuli, zisibekele isicamagushelo; izinto ezo esingenakuthetha ngazo ngazinye ngoku.
9:6b.HEB.009.006 Ke kaloku, zakubon ukuba zenziwe ngokunjalo ezo zinto, ababingeleli bangena okunene amaxa onke kowokuqala umnquba, beyifeza imibuso kaThixo.
9:7b.HEB.009.007 Kodwa kowesibini kungena kube kanye ngomnyaka umbingeleli omkhulu yedwa, engangeni engenagazi, alisondezayo ngenxa yakhe, nangenxa yokungazi kwabantu.
9:8b.HEB.009.008 Abe ngoku uMoya oyiNgcwele esazisa ukuthi, indlela eya kweyona ngcwele ayikabonakalaliswa, umnquba wokuqala usemi;
9:9b.HEB.009.009 wona lo ungumzekeliso ozise exesheni elingeneyo, ekuthi ngalo kusondezwe iminikelo kwanamadini, izinto ezo ezingenako ngokwesazela ukumenza agqibelele lowo ukhonzayo;
9:10b.HEB.009.010 ezithe, ndawonye nezinto ezidliwayo neziselwayo, neentlambululo ngeentlambululo, ezizizimiselo zenyama kuphela, zamiselwa ukuba kude kufike ixesha lolungiso.
9:11b.HEB.009.011 Ke yena uKristu, efike wangumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho, uthe ngowona mkhulu ugqibeleleyo umnquba, ongenakwenziwa ngazandla, oko kukuthi, ongengowale ndalo,
9:12b.HEB.009.012 wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengalo negazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela.
9:13b.HEB.009.013 Kuba, ukuba igazi leenkomo neleebhokhwe, nothuthu lwethokazi olufefa abaziinqambi, lungcwalisela ekuhlambululeni inyama:
9:14b.HEB.009.014 lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngoMoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo?
9:15b.HEB.009.015 Nangenxa ke yoko, ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon,ukuba kubekho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade.
9:16b.HEB.009.016 Kuba apho kukhoyo umnqophiso womyoleli, kufuneka ukuba kucace ukufa kwalowo unqophisileyo.
9:17b.HEB.009.017 Kuba umnqophiso uqiniseka bakuba befile, ekubeni ungaze ube namandla xenikweni asadla ubomi lowo unqophisileyo.
9:18b.HEB.009.018 Ekuthe ngoko nowokuqala awasungulwa kungekho gazi.
9:19b.HEB.009.019 Kuba kuthe, kwakubon ukuba umthetho wonke uxeliwe nguMoses ebantwini bonke ngokomyalelo, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope, wafefa incwadi ngokwayo, kwanabantu bonke;
9:20b.HEB.009.020 esithi, Eli ligazi lawo umnqophiso, aniwisele umthetho ngawo uThixo.
9:21b.HEB.009.021 Nomnquba ke, nazo zonke iimpahla zombuso, wazifefa ngokunjalo ngegazi.
9:22b.HEB.009.022 Kananjalo ngokomthetho ndingade ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.
9:23b.HEB.009.023 Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjululwe ngezinto ezinjalo, kodwa zona iziqu zazo ezasemazulwini zihlanjululwe ngamadini alungileyo kunalawo.
9:24b.HEB.009.024 Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.
9:25b.HEB.009.025 Kananjalo akangenanga ukuze azisondeze futhi, njengokuba umbingeleli omkhulu ebengena kweyona ngcwele iminyaka ngeminyaka, enegazi lenye into;
9:26b.HEB.009.026 okanye ange emelwe kukuba abe ebeve ubunzima futhi, kuseloko lasekwayo ihlabathi. Ke uthe ngoku, ekufinyezweni kwawo amaphakade, wabonakalaliswa kwaba kanye, ukuba atshitshise isono ngelilelakhe idini.
9:27b.HEB.009.027 Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo:
9:28b.HEB.009.028 ngokunjalo uKristu, esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale asisuse isono sabaninzi, uya kuthi okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso.
10
10:1b.HEB.010.001 Kuba umthetho, unesithunzi nje sodwa sezinto ezilungileyo eziza kubakho, ungenaso sona isimilo sazo izinto, awuze ube nako, iminyaka ngeminyaka, ngaloo madini bawasondeza ngokungapheliyo, ukubenza bagqibelele abo basondelayo.
10:2b.HEB.010.002 Okanye ange engayekwanga na ukusondezwa, ngenxa yokuba abo bakhonzayo, behlanjululwe nje kwaba kanye, bengasenasazela sazono?
10:3b.HEB.010.003 Kusuke kuwo apho kubekho ukukhunjuzwa kwezono iminyaka ngeminyaka.
10:4b.HEB.010.004 Kuba akunakwenzeka ukuthi igazi leenkomo neleebhokhwe lisuse izono.
10:5b.HEB.010.005 Kungoko, akungena ehlabathini, athi, Akuthandanga mbingelelo, namnikelo wakudla, Ke undilungisele umzimba;
10:6b.HEB.010.006 Amadini atshiswayo kuphele, nangawesono, akukholiswanga ngawo.
10:7b.HEB.010.007 Ndaza ndathi, Yabona, ndiyeza (Encwadini esongwayo kubhalwe ngam), Ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo.
10:8b.HEB.010.008 Esithi nje ngentla, Imibingelelo, neminikelo yokudla, namadini atshiswayo kuphele, nangawesono, akuwathandanga, akukholiswanga ngawo (wona lawo asondezwayo ngokomthetho),
10:9b.HEB.010.009 ubuye athi, Yabona, ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo. Ususa okokuqala, ukuze amise okwesibini.
10:10b.HEB.010.010 Esithe, ngokokuthanda kwakhe, sangcwaliswa ngokusondezwa komzimba kaYesu Kristu, kwaba kanye.
10:11b.HEB.010.011 Wonke ke ongumbingeleli uma okunene imihla ngemihla ebusa, ewasondeza futhi kwawona loo madini, angenako nakanye ukususa isono.
10:12b.HEB.010.012 Kodwa yena lo, esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo;
10:13b.HEB.010.013 okokugqibela elinde ukuba zide iintshaba zakhe zenziwe isihlalo seenyawo zakhe.
10:14b.HEB.010.014 Kuba ngamnikelo mnye ubenze bagqibelela ngokungapheliyo abo bangcwaliswayo.
10:15b.HEB.010.015 Uyasingqinela ke naye uMoya oyiNgcwele; kuba, emveni kokuba etshilo ngenxa engaphambili ukuthi,
10:16b.HEB.010.016 Nangu wona umnqophiso, endiya kuwenza nabo Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi, Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo, Ndiya kuyibhala ezingqondweni zabo, ubuya athi,
10:17b.HEB.010.017 Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula.
10:18b.HEB.010.018 Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhona, akusekho mnikelo ngenxa yesono.
10:19b.HEB.010.019 Ngoko, bazalwana, sinokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu,
10:20b.HEB.010.020 ngendlela entsha, ephilileyo, awayisungulela thina, iphumela esikhuselweni, oku kukuthi, enyameni yakhe;
10:21b.HEB.010.021 sinombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo:
10:22b.HEB.010.022 masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sinenzaliseko yokholo, sifefiwe iintliziyo zethu, sisusiwe isazela esingendawo. Masithi, sihlanjiwe nje umzimba ngamanzi amhlophe,
10:23b.HEB.010.023 silubambe uvumo lwethu lwethemba, lungabi nakuxengaxenga; kuba uthembekile lowo wabeka ngedinga.
10:24b.HEB.010.024 Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle;
10:25b.HEB.010.025 singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
10:26b.HEB.010.026 Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono;
10:27b.HEB.010.027 sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo.
10:28b.HEB.010.028 Umntu obegiba okaMoses umthetho, ubebulawa kungekho tarhu, ngezwi lamangqina amabini, nokuba mathathu.
10:29b.HEB.010.029 Niba wobeka phi na ke ukufanelwa kukubethwa okubi ngakumbi, lo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, walibalela ekuthini liyinqambi igazi lomnqophiso athe wangcwaliswa ngalo, wamgxeka uMoya wobabalo?
10:30b.HEB.010.030 Kuba siyamazi lowo watshoyo ukuthi, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Kananjalo wathi, INkosi iya kubagweba abantu bayo.
10:31b.HEB.010.031 Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo.
10:32b.HEB.010.032 Zikhumbuzeni ke imihla yangaphambili, enakhanyiselwa ngayo, nanyamezela umzamo omkhulu weentlungu;
10:33b.HEB.010.033 enaphatha ukuthi nenziwe isibonelo ngeengcikivo kwaneembandezelo, naphatha ukuthi nibe ngamadlelana nabo bahamba ngokunjalo.
10:34b.HEB.010.034 Kuba navelana nam ndisezintanjeni; kananjalo nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kweempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu emazulwini eyona mpahla ilungileyo, ihlala ihleli.
10:35b.HEB.010.035 Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu.
10:36b.HEB.010.036 Kuba kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga.
10:37b.HEB.010.037 Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinanana, Athi lowo uzayo afike, angalibali.
10:38b.HEB.010.038 Ke lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni; Ukuba ke uthe wahlehla, awuyi kukholiswa nguye umphefumlo wam.
10:39b.HEB.010.039 Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni; singabokholo olusa ekuzuzeni umphefumlo.
11
11:1b.HEB.011.001 Ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo; kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo.
11:2b.HEB.011.002 Kuba amanyange angqinelwa ngokuba nalo olo.
11:3b.HEB.011.003 Ngokholo siyaqonda ukuba indalo le yonke yenziwe yabakho ngelizwi likaThixo, ukuze izinto ezi zibonwayo zibe aziphume kwezibonakalayo.
11:4b.HEB.011.004 Ngokholo uAbheli wasondeza kuye uThixo umbingelelo ogqithileyo kunokaKayin, awangqinelwa ngawo ukuba ulilungisa, uThixo wayingqinelayo nje iminikelo yakhe; ngalo ke, efile nje, usathetha.
11:5b.HEB.011.005 Ngokholo uEnoki wafuduselwa emazulwini ukuba angaboni kufa; akaba nakufunyanwa ke, ngenxa enokuba uThixo wamfudusayo; kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe, wangqinelwa ukuba umkholise kakuhle uThixo.
11:6b.HEB.011.006 Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.
11:7b.HEB.011.007 Ngokholo uNowa, ehlatyelwe nguThixo ngazo izinto ebezingekabonwa, wathi ngokoyika uThixo wawakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe, awathi ngalo waligweba ihlabathi, waba yindlalifa yobulungisa obungokokholo.
11:8b.HEB.011.008 Ngokholo uAbraham wathi, akubizwa, Wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa; waphuma ke, engazi kakuhle nalapho aya khona.
11:9b.HEB.011.009 Ngokholo waba ngumphambukeli emhlabeni wedinga, wanga ukowasemzini, ehleli eminqubeni, ndawonye noIsake noYakobi, beziindlalifa zalo elo dinga ndawonye naye;
11:10b.HEB.011.010 kuba wayewulindele umzi lo uneziseko, ungcibi, umbangi wawo, inguThixo.
11:11b.HEB.011.011 Ngokholo noSara ngokwakhe wamkela amandla okumisa umzi, waza wazala, liseligqithile ixesha lokuba amithe, ekubeni wambalela ekuthini uthembekile lowo wabekayo ngedinga.
11:12b.HEB.011.012 Kungoko kwazalwayo ngamnye, engofileyo ke lowo, into engangeenkwenkwezi zezulu ukuba yintabalala, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, engenakubalwa.
11:13b.HEB.011.013 Aba bonke bafa ngokokholo, bengawafumananga amadinga; besuka bawabona kude, bakholosa, bathakazela, bavuma ukuba bangabasemzini, balundwendwe emhla beni.
11:14b.HEB.011.014 Kuba abo bathetha izinto ezinjalo, babonakalalisa ukuba bangxamele ikowabo.
11:15b.HEB.011.015 Ke, ukuba okunene babekhumbula elo babephuma kulo, ngebaba nethuba lokubuyela kulo.
11:16b.HEB.011.016 Kodwa ngoku bazolulela kwelona lilungileyo, oko kukuthi, kwelasemazulwini. Kungoko uThixo angenazintloni ngabo, ukuba kuthiwe unguThixo wabo, kuba ebalungisele umzi.
11:17b.HEB.011.017 Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake, akulingwa; waye, owawamkelayo ngovuyo amadinga lawo, enikela okuphela kwawamzalayo;
11:18b.HEB.011.018 ekwakuthethwe kuye kwathiwa, Iya kubizwa ngoIsake imbewu yakho;
11:19b.HEB.011.019 ecamanga ngokuthi, uThixo unako ukuvusa nakwabafileyo; apho athe ngoko Wamzuza ngokomzekeliso.
11:20b.HEB.011.020 Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho.
11:21b.HEB.011.021 Ngokholo uYakobi uthe, xa aqhawukayo, wabasikelela oonyana bakaYosefu ngabanye, waqubuda esimelele ngentonga yakhe.
11:22b.HEB.011.022 Ngokholo uYosefu uthe, xa abhubhayo, wakukhankanya ukuphuma koonyana bakaSirayeli, wawisa umthetho ngawo amathambo akhe.
11:23b.HEB.011.023 Ngokholo uMoses uthe, akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle, abasoyika isimiselo sokumkani.
11:24b.HEB.011.024 Ngokholo uMoses uthe, akuba mkhulu, akavuma ukubizwa ngokuthi ungunyana wentombi kaFaro;
11:25b.HEB.011.025 enyula kanye ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle izono okomzuzwana;
11:26b.HEB.011.026 ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa, kuba wayekhangele ukwamkela umvuzo.
11:27b.HEB.011.027 Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.
11:28b.HEB.011.028 Ngokholo uyenzile ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo wayewatshabalalisa amazibulo angawachukumisi.
11:29b.HEB.011.029 Ngokholo baluwela uLwandle oluBomvu, kwanga kusemhlabeni owomileyo; athe amaYiputa, akukulinga oko, antywiliselwa.
11:30b.HEB.011.030 Ngokholo zawa iindonga zaseYeriko, zakuba zijikeleziwe iimini ezisixhenxe.
11:31b.HEB.011.031 Ngokholo uRahabhi ihenyukazi akatshabalalanga nabo bangevayo, akuba ezamkele iintlola ngoxolo.
11:32b.HEB.011.032 Ndisathetha ntoni na? Kuba ndingaphelelwa lixesha ndibalisa ngoGidiyon, kwanoBharaki, noSamson, noYifeta, kwanoDavide, noSamuweli, nangabo abaprofeti;
11:33b.HEB.011.033 abathe ngokholo beyisa izikumkani, basebenza ubulungisa, bazuzana namadinga, bavingca imilomo yeengonyama,
11:34b.HEB.011.034 bacima amandla omlilo, basinda kwiintlangothi zekrele, bomelela ekubeni bebeswele amandla, baba ngamagorha emfazweni, bagxotha imikhosi yabasemzini.
11:35b.HEB.011.035 Abafazi babazuza abafileyo babo bevukile; abanye ke batyakatywa, bengalwamkelanga ukhululo, ukuze bazuzane nolona luvuko lululo.
11:36b.HEB.011.036 Bambi ke benziwa intlekisa, batyakatywa; phezu koko ke baviswa imixokelelwane nentolongo;
11:37b.HEB.011.037 baxulutywa ngamatye; basarhwa; bahendwa; bafa kukubulawa ngekrele; bahamba ngeengubo zeegusha nangeengaga zeebhokhwe, beswele, bebandezelwe, bephathwa kakubi
11:38b.HEB.011.038 (elalingabafanele ihlabathi), bedinga koozintlango, noozintaba, noomiqolomba, nakwimingxuma yomhlaba.
11:39b.HEB.011.039 Aba ke bonke bathi, nakuba babengqinelwe ngalo ukholo, abazuzana nalo idinga,
11:40b.HEB.011.040 uThixo esazalelele thina ngeyona nto ilungileyo, ukuze bangenziwa bagqibelele ngaphandle kwethu.
12
12:1b.HEB.012.001 Ngako oko ke, sinelifu elingakanana nje elisingqongileyo lamangqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu;
12:2b.HEB.012.002 sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.
12:3b.HEB.012.003 Ewe, mqondeni lowo ukunyamezeleyo ukumphikisa okungaka kwaboni, ukuze ningadinwa, ingatyhafi imiphefumlo yenu.
12:4b.HEB.012.004 Anikachasi kude kube segazini, nizamana naso isono.
12:5b.HEB.012.005 Kananjalo senilulibele uvuselelo olu, luthetha kuni ngathi kukoonyana, lusithi, Nyana wam, musa ukukucekisa ukuqeqesha kweNkosi, Kananjalo ungatyhafi wakohlwaywa yiyo;
12:6b.HEB.012.006 Kuba lowo imthandayo iNkosi iyamqeqesha, Ibatyakatye ke bonke oonyana ebamkelayo.
12:7b.HEB.012.007 Ukuba ninyamezela uqeqesho, uThixo woba uniphethe njengoonyana; kuba nguwuphi na unyana ongaqeqeshwayo nguyise?
12:8b.HEB.012.008 Ukuba ke aniqeqeshwa, abathe baba ngamadlelane ngalo bonke, noba nina niyimigqakhwe ngoko, aningoonyana.
12:9b.HEB.012.009 Kananjalo sibe sinabo oobawo benyama okunene besiqeqesha, sabahlonela; asiyi kuthi ngakumbi na sithobele uYise woomoya bonke, sidle ubomi?
12:10b.HEB.012.010 Kuba bona okunene basiqeqesha imihla embalwa, ngokokuzithandela kwabo, kodwa yena usiqeqeshela okusilungeleyo, ukuze sahlulelane ngobungcwele bakhe.
12:11b.HEB.012.011 Lonke ke uqeqesho okunene ngokwakalokunje alubonakali luluvuyo, lubonakala luyintlungu; kodwa kamva lubanika isiqhamo esiluxolo, oko kukuthi sobulungisa, abo baqhelisiweyo lulo.
12:12b.HEB.012.012 Kungoko endithi, Zimiseni izandla eziwileyo, namadolo anedumbe;
12:13b.HEB.012.013 iinyawo zenu nizenzele imizila ethe tye, ukuze into eqhwalelayo ingaphambuki endleleni, kanye ke iphiliswe.
12:14b.HEB.012.014 Phuthumani uxolo nabo bonke, nobungcwele, ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo;
12:15b.HEB.012.015 nivelela, ukuze kungabikho bani usilelayo elubabalweni lukaThixo, kungabikho ngcambu yabukrakra, ithi ivele ihlume, inikhathaze, bathi abaninzi badyojwe yiyo;
12:16b.HEB.012.016 kungabikho bani ulihenyu, nokuba ngumhlambeli, njengoEsawu, owathi ngenxa yentwana yokudla wananisa ngobuzibulo bakhe.
12:17b.HEB.012.017 Kuba niyazi ukuba wathi kamva, ethanda ukuyidla ilifa intsikelelo, walahlwa; kuba akafumananga thuba languquko, noko wayingxamelayo ngeenyembezi.
12:18b.HEB.012.018 Kuba anisondelanga ntabeni iphathwayo, itshayo ngumlilo, nasithokothokweni, na bumnyameni, naluqhwitheleni,
12:19b.HEB.012.019 nasandini saxilongo, nasithongeni samazwi, abathe abo basivayo bacela kabukhali, ukuba kungabi sathethwa lizwi kubo.
12:20b.HEB.012.020 Kuba babengenakukuthwala oko babeyalwa ngako; nokuba ithe inkomo yayichukumisa intaba, ibiya kuxulutywa ngamatye, ithi mhlawumbi ibinzwe ngomkhonto;
12:21b.HEB.012.021 yaza loo nto yabonakalayo yoyikeka, kangangokuba uMoses athi, Ndiyoyika kakhulu, ndiyagubha.
12:22b.HEB.012.022 Nisuke nina nafika eZiyon, entabeni nasemzini woThixo ophilileyo, kwiYerusalem yasemazulwini, nakumawakawaka ezithunywa zezulu,
12:23b.HEB.012.023 kwingqungquthela, nakwibandla lamazibulo abhaliweyo emazulwini, nakuThixo, uMgwebi wabo bonke, nakoomoya bamalungisa agqibeleleyo,
12:24b.HEB.012.024 nakuMlamleli womnqophiso omtsha, uYesu, nakwigazi lokufefa, elithetha ezona zinto zilungileyo kunelika-Abheli.
12:25b.HEB.012.025 Lumkani, ningamali lowo uthethayo. Ukuba ke abo, bamalayo lowo wahlabayo izihlabo emhlabeni, abasindanga, kobeka phi na ke ukugqithisela kokungasindi kwethu, thina bamnikela umva lowo uhlaba esemazulwini;
12:26b.HEB.012.026 olizwi oko lawuzamazamisayo umhlaba; ngoku ke ubeke ngedinga, esithi, Kusaya kuba ngumzuzwana endiya kuthi mna ndinganyikimisi mhlaba wodwa, ndinyikimise nalo izulu.
12:27b.HEB.012.027 Oku kuthi ke, Kusaya kuba ngumzuzwana, kubonakalalisa ukuguqulwa kwezinto ezizanyazanyiswayo, ngathi kokwezenziweyo, ukuze zihlale zona ezingenakuzanyazanyiswa.
12:28b.HEB.012.028 Masithi ngoko, sisamkela ubukumkani obungenakuzanyazanyiswa nje, sibe nombulelo, simkhonze ngawo uThixo ngokukholekileyo, sinokuhlonela nokoyika;
12:29b.HEB.012.029 kuba uThixo wethu ungumlilo odlayo.
13
13:1b.HEB.013.001 Uthando lobuzalwana maluhlale luhleli.
13:2b.HEB.013.002 Musani ukukulibala ukubuka iindwendwe; kuba ngokwenjenjalo inxenye ibuke izithunywa zezulu, ingazi.
13:3b.HEB.013.003 Bakhumbuleleni abakhonkxiweyo, ninge nikhonkxiwe nani; nabo ke baphathwa kakubi, njengokuba nisemzimbeni nani.
13:4b.HEB.013.004 Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.
13:5b.HEB.013.005 Isimilo senu masibe sesingathandi mali, yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo yena ukuthi, Andiyi kukha ndikuyekele; wabuya wathi, Andiyi kukha ndikushiye;
13:6b.HEB.013.006 ngokokude somelele sithi, INkosi ilusizo lwam, andiyi koyika; Wondenza ntoni na umntu?
13:7b.HEB.013.007 Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo.
13:8b.HEB.013.008 UYesu Kristu ukwanguye izolo, nanamhla, ase nakuwo amaphakade.
13:9b.HEB.013.009 Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo; kuba kuhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.
13:10b.HEB.013.010 Sinesibingelelo thina, abangenagunya lakudla kuso abo bakhonza umnquba.
13:11b.HEB.013.011 Kuba ezo zinto ziphilileyo, zigazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyona ngcwele nguye umbingeleli omkhulu, imizimba yazo itshiselwa ngaphandle kweminquba.
13:12b.HEB.013.012 Kungoko athe noYesu, ukuze abangcwalise abantu ngelilelakhe igazi, weva ubunzima ngaphandle kwesango.
13:13b.HEB.013.013 Masiphume ke ngoko siye kuye ngaphandle kweminquba, sithwele ingcikivo yakhe.
13:14b.HEB.013.014 Kuba apha asinamzi uhleliyo, singxamele lowo uza kuza.
13:15b.HEB.013.015 Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.
13:16b.HEB.013.016 Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.
13:17b.HEB.013.017 Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaya kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko.
13:18b.HEB.013.018 Sithandazeleni; kuba sikholosekile kukuthi sinesazela esilungileyo, singa ezintweni zonke singahamba kakuhle.
13:19b.HEB.013.019 Ndiyavuselela ke ngokugqithiseleyo, ukuba nikwenze oko, ukuze ndibuyiselwe kuni kamsinyane.
13:20b.HEB.013.020 Ke kaloku uThixo woxolo, lowo wamvusayo kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade,
13:21b.HEB.013.021 iNkosi yethu uYesu, wanga anganilungisa, nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe, esenza ngaphakathi kwenu oko kukholekileyo emehlweni akhe, ngoYesu Kristu. Kuye makubekho uzuko, luse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
13:22b.HEB.013.022 Ndiyanivuselela ke nina, bazalwana, linyamezeleni ilizwi lovuselelo olu; kuba ke ndinibhalele ngokufutshane.
13:23b.HEB.013.023 Yazini ukuba umzalwana wethu uTimoti ukhululwe; endothi, xa angaba uthe wafika kamsinya, ndinibone ndinaye.
13:24b.HEB.013.024 Babuliseni bonke abakhokeli benu, nabo bonke abangcwele. Bayanibulisa abavela eItaliya.
13:25b.HEB.013.025 Ubabalo malube nani nonke. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Hebrews (Xhosa). Hebrews (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C421-5