Philemon (Xhosa)
1
1:1b.PHM.001.001 UPawulos, umbanjwa kaKristu Yesu, noTimoti umzalwana, babhalela uFilemon oyintanda, osebenzisana nathi,
1:2b.PHM.001.002 noApiya isithandanekazi sethu, noArkipo umphumi-mkhosi nathi, nebandla elisendlwini yakho;
1:3b.PHM.001.003 bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Kristu.
1:4b.PHM.001.004 Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhumbula emithandazweni yam,
1:5b.PHM.001.005 ndiluva nje olwakho uthando, nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu, nakubo bonke abangcwele,
1:6b.PHM.001.006 ukuze ubudlelane bokholo lwakho bube nokusebenza ngokwazi konke okulungileyo okukuni, kuse kuKristu Yesu.
1:7b.PHM.001.007 Kuba sinovuyo nothuthuzeleko olukhulu ngalo uthando lwakho, ngokuba izibilini zabangcwele ziphunyuziwe ngawe, mzalwana.
1:8b.PHM.001.008 Kungoko endithi, nakuba ndinako ukungafihlisi okukhulu kuKristu, kokuba ndikuthethele okufanelekileyo,
1:9b.PHM.001.009 noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndingonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu.
1:10b.PHM.001.010 Ndikubongoza ngenxa yomntwana wam, uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni;
1:11b.PHM.001.011 obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum unoncedo oluhle.
1:12b.PHM.001.012 Lowo ndimbuyisele kuwe; wena ke mamkele, oko kukuthi, yamkela izibilini zam;
1:13b.PHM.001.013 ebendinga mna ndingasendihlala naye apha, ukuze athi endaweni yakho andilungiselele, ndisezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi;
1:14b.PHM.001.014 kodwa andithandanga kwenza nto, ungatshongo wena, ukuze ukulunga kwakho kungangi kokokunyanzelwa, kube kokokuvuma.
1:15b.PHM.001.015 Kuba mhlawumbi wahlukaniswa umzuzwana nawe ngenxa yoku, ukuze umzuze ngokwaphakade;
1:16b.PHM.001.016 engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi?
1:17b.PHM.001.017 Ngoko ke, ukuba unobudlelane nam, mamkele njengam.
1:18b.PHM.001.018 Ukuba wakona, nokuba unetyala kuwe, oko kubalele kum.
1:19b.PHM.001.019 Mna Pawulos ndikubhale ngesam isandla ukuthi, mna ndokuhlawula; endingatshoyo kuwe ukuthi, kum unetyala elingaphezulu, elinguwe ngokwakho.
1:20b.PHM.001.020 Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini.
1:21b.PHM.001.021 Ndikubhalele ndeyisekile kukundilulamela kwakho, ndisazi ukuba uya kwenza nangaphezulu koko ndikuthethayo.
1:22b.PHM.001.022 Kunye ke noko, ndilungisele indawo yokuhlala; kuba ndithembile ukuba ngayo imithandazo yenu nondiphiwa.
1:23b.PHM.001.023 Uyakubulisa uEpafras, umbanjwa ndawonye nam wakwaKristu Yesu,
1:24b.PHM.001.024 kwanoMarko, noAristarko, noDemasi, noLuka, abasebenzisana nam.
1:25b.PHM.001.025 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Philemon (Xhosa). Philemon (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C41E-A