Titus (Xhosa)
1
1:1b.TIT.001.001 UPawulos, umkhonzi kathixo, umpostile ke kaYesu Kristu, ngokokholo lwabanyulwa bakaThixo, nokuyazi inyaniso engokokuhlonela uThixo;
1:2b.TIT.001.002 ngethemba lobomi obungunaphakade, awathi uThixo, ongenakuxoka, wabubeka idinga ngaphambi kwamaxesha angunaphakade,
1:3b.TIT.001.003 walibonakalisa ke ilizwi lakhe ngamaxesha angawalo, ngokuvakalisa endakuphathiswayo mna, ngokommiselo woMsindisi wethu uThixo:
1:4b.TIT.001.004 kuTito, umntwana wam wenene ngokwaselukholweni, esinobudlelane ngalo: Makube lubabalo, noxolo oluvela kuThixo uYise, nakuYesu Kristu, uMsindisi wethu.
1:5b.TIT.001.005 Ndakushiya eKrete ngenxa yoku, ukuze uhambise ukuzilungisa izinto eziseleyo, umise amadoda amakhulu kwimizi ngemizi, njengoko ndakumisela ngako mna:
1:6b.TIT.001.006 ukuba umntu ungongenakumangaleleka, eyindoda yamfazi mnye enabantwana abakholiweyo, abangamiselwa tyala lakuzibhubhisa, abangaswele kuthobela mntu.
1:7b.TIT.001.007 Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; angabi ngowenza ukuzithandela kwakhe; angabi ngoqumba msinya; angabi ngogeziswa yiwayini; angabi ngumbethi; angabi ngongxamela nzuzo imbi.
1:8b.TIT.001.008 Umelwe kukuthi abe ngobuka iindwendwe, umthandi wokulungileyo, onesidima, olilungisa, ongcwele, onokuzeyisa;
1:9b.TIT.001.009 ebambelele ezwini elithembekileyo ngokwemfundiso, ukuze abe nako ukuvuselela ngayo imfundiso ephilileyo, nokubohlwaya badane abaphikayo.
1:10b.TIT.001.010 Kuba baninzi abathethi bezinto ezingento nabakhohlisi, abaswele intobeko, ngokukodwa abo bolwaluko,
1:11b.TIT.001.011 abamelwe kukuvingcwa imilomo; abathi izindlu ziphela bazibhukuqe, befundisa izinto ezingafanelekileyo ngenxa yenzuzo embi.
1:12b.TIT.001.012 Wathi omnye wabo, kwaumprofeti wakowabo, AmaKrete ahlala engamaxoki, amarhamncwa amabi, amadla-kudla angasebenziyo.
1:13b.TIT.001.013 Obo bungqina buyinene. Ngenxa yeli thuba bohlwaye kabukhali, badane, ukuze baphile elukholweni;
1:14b.TIT.001.014 banganyamekeli zintsomi zabuYuda, namithetho yabantu abayinikela umva inyaniso.
1:15b.TIT.001.015 Izinto zonke zihlambulukile kwabahlambulukileyo; kwabadyobhekileyo nabangakholwayo, akukho nto ihlambulukileyo; kusuke kwadyobheka nengqiqo nesazela sabo.
1:16b.TIT.001.016 Bayavuma ukuba bayamazi uThixo; kanti ngayo imisebenzi bayamkhanyela, bengamasikizi, bengabangevayo, nakumsebenzi wonke olungileyo bengenakucikideka.
2
2:1b.TIT.002.001 Ke wena, thetha izinto eziyifaneleyo imfundiso ephilileyo;
2:2b.TIT.002.002 ukuba amadoda amakhulu abe ziingcathu, andileke, abe nesidima, aphile elukholweni, eluthandweni, elunyamezelweni;
2:3b.TIT.002.003 ukuba abafazi abakhulu kwangokunjalo babe nesimilo esibafaneleyo, bangabi ngabatyholi; bangazilahleli kwiwayini eninzi; bafundise okuhle;
2:4b.TIT.002.004 ukuze bayale abafazana ukuba babe nesidima, bawathande amadoda abo, babathande abantwana babo,
2:5b.TIT.002.005 babe nesidima, babe nyulu, basebenze ezindlwini zabo, babe nokulunga, bawathobele awabo amadoda, ukuze ilizwi likaThixo linganyeliswa.
2:6b.TIT.002.006 Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima.
2:7b.TIT.002.007 Ezintweni zonke zenze umzekelo wemisebenzi emihle;
2:8b.TIT.002.008 emfundisweni ube ngomsulwa, ngondilekileyo, ngolizwi liphilileyo, lingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani.
2:9b.TIT.002.009 Amakhoboka wathethele ukuba azithobele iinkosi zawo, abe ngakholekileyo kakuhle ezintweni zonke, engaphiki; angashinti;
2:10b.TIT.002.010 asuke abonakalalise konke ukuthembeka okulungileyo, ukuze ayivathise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke.
2:11b.TIT.002.011 Kuba lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo;
2:12b.TIT.002.012 lusiqeqesha ukuze sithi, sikuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku;
2:13b.TIT.002.013 silinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu,
2:14b.TIT.002.014 owazinikela ngenxa yethu, ukuze asikhulule ngokusihlawulela kuko konke ukuchasa umthetho, azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle.
2:15b.TIT.002.015 Ezi zinto zithethe, uvuselele, wohlwaye ngawo wonke ummiselo. Makungabikho namnye ukudelayo.
3
3:1b.TIT.003.001 Bakhumbuze ukuba bathobele oozilawuli noomagunya, baphulaphule abaphathi, bawulungele wonke umsebenzi olungileyo.
3:2b.TIT.003.002 Mabanganyelisi namnye umntu, bangabi nakulwa, babe nokuthantamisa, bebonakala benobulali bonke kubantu bonke.
3:3b.TIT.003.003 Kuba nathi sibe sifudula singabasweli-kuqonda, singeva, silahleka, sikhonza iinkanuko neziyolo ngeziyolo, sihleli ngolunya nomona, sinezothe, sithiyana.
3:4b.TIT.003.004 Kodwa kuthe kwakubonakala ububele bukaThixo, uMsindisi wethu, nokuthanda kwakhe abantu,
3:5b.TIT.003.005 kungengamisebenzi esebulungiseni esayenzayo thina, kungokwenceba yakhe, wasisindisa ngentlambululo yokuzalwa ngokutsha, nangokuhlaziya koMoya oyiNgcwele;
3:6b.TIT.003.006 awamthululayo phezu kwethu ngokobutyebi, ngoYesu Kristu uMsindisi wethu;
3:7b.TIT.003.007 ukuze sithi, sigwetyelwe ngobabalo lwalowo, sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade ngokwethemba.
3:8b.TIT.003.008 Lithembekile ilizwi elo; nezo zinto ndinga ungaziqinisela, ukuze banyameke, benze imisebenzi emihle, abo bakholiweyo kuThixo. Ezo zinto zintle, zinokubanceda abantu.
3:9b.TIT.003.009 Ke yona imibuzo yobudenge, nemilibo yokuzalwa, neenkani, nokulwa ngawo umthetho, zinxweme, kuba azincedi lutho, asinto zanto.
3:10b.TIT.003.010 Umntu ongumahlukanisi, akuba elulekwe kanye nokuba kukabini, mmangale;
3:11b.TIT.003.011 usazi ukuba onjalo ugwenxeke kwaphela; uyona, ezigwebile ngokwakhe.
3:12b.TIT.003.012 Xenikweni ndithe ndathuma kuwe uArtemas, nokuba nguTikiko, khawuleza uze kum eNikopolis; kuba ndigqibe kwelokuba ndobudlulisa ubusika khona apho.
3:13b.TIT.003.013 UZenas, umqondisi-mthetho, noApolos, baxhobisele indlela ngokunyameka, ukuze bangasweli nto.
3:14b.TIT.003.014 Abethu mabafunde ke ukwenza imisebenzi emihle yokunceda abaswele kanzima, ukuze bangabi ngabangenasiqhamo.
3:15b.TIT.003.015 Bayakubulisa bonke abanam. Babulise abo basithandayo ngokwaselukholweni. Ubabalo malube nani nonke. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Titus (Xhosa). Titus (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C41B-D