Colossians (Xhosa)
1
1:1b.COL.001.001 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana,
1:2b.COL.001.002 ubhalela abaseKolose, abazalwana abangcwele abakholwayo kuKristu; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
1:3b.COL.001.003 Sihlala sibulela kuye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, xa sinithandazelayo,
1:4b.COL.001.004 sivile nje ngokukholwa kwenu kuKristu Yesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele,
1:5b.COL.001.005 ngenxa yethemba eli nalibekelwayo emazulwini; nalivayo ngenxa engaphambili ngalo ilizwi lenyaniso leendaba ezi zilungileyo;
1:6b.COL.001.006 zikhoyo kuni, njengoko zikhoyo nakulo lonke ihlabathi, zixakatha neziqhamo, kwanjengoko zixakathayo ngaphakathi kwenu, kususela kwimini enaluvayo, nalwazi, ubabalo lukaThixo ngenya, niso.
1:7b.COL.001.007 njengoko nafundayo nokufunda kuEpafra, ongumkhonzi oyintanda kunye nathi, engumlungiseleli othembekileyo kaKristu ngenxa yenu;
1:8b.COL.001.008 owasazisayo nokusazisa uthando lwenu lwaseMoyeni.
1:9b.COL.001.009 Ngenxa yoku, kususela kwimini esevayo, nathi asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya;
1:10b.COL.001.010 ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo;
1:11b.COL.001.011 nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo;
1:12b.COL.001.012 nibulela kuye uYise, owasenza sakulingana ukwahlulelwa ilifa labangcwele ekukhanyeni;
1:13b.COL.001.013 owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe,
1:14b.COL.001.014 esinayo kuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa kwezono ke oko.
1:15b.COL.001.015 Ungumfanekiselo kaThixo ongenakubonwa, owamazibulo kwindalo yonke.
1:16b.COL.001.016 Ngokuba zadalelwa kuye zonke izinto, ezisemazulwini nezisemhlabeni, ezinokubonwa nezingenakubonwa, nokuba ziitrone, nokuba zibubukhosi, nokuba zizilawuli, nokuba ngamagunya; zonke izinto zidalwe nguye, zidalelwe yena.
1:17b.COL.001.017 Yena ke ungaphambi kweento zonke, nazo zonke izinto zima zimi kuye.
1:18b.COL.001.018 Yena ke uyintloko yomzimba, yebandla; oyingqalo, owamazibulo ukuvuka kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkhulu ezintweni zonke.
1:19b.COL.001.019 Ngokuba kwakholeka ukuthi ukuzaliseka konke kuhlale kuye,
1:20b.COL.001.020 nokuthi ngaye azixolelanise naye zonke izinto, elwenzile uxolo ngalo igazi lomnqamlezo wakhe; ewe, ngaye, nokuba zizinto ezisemhlabeni, nokuba zezisemazulwini.
1:21b.COL.001.021 Nani, enibe nifudula ningazani noThixo, niziintshaba ngengqondo yenu emisebenzini yenu engendawo, kukalokunje unixolelanisile ngako ukufa emzimbeni wenyama yakhe,
1:22b.COL.001.022 ukuze animise ningcwele, ningenakubekwa bala, ningenakumangalelwa phambi kwakhe;
1:23b.COL.001.023 ukuba kaloku nihlala nihleli elukholweni, nisekelwe niqinile, ningashukunyiswa nimke ethembeni leendaba ezilungileyo ezi nazivayo, zona zashunyayelwayo kwindalo yonke ephantsi kwezulu; endaba ngumlungiseleli wazo, mna Pawulos.
1:24b.COL.001.024 Ngoku ndiyavuya ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndikuzalisa kanye okusileleyo kwiimbandezelo zikaKristu, enyameni yam, ngenxa yomzimba wakhe olilo ibandla;
1:25b.COL.001.025 endaba ngumlungiseleli walo mna ngokokugosisa kukaThixo, awandigosisa ngako kuni, ukuba ndilizalise ilizwi likaThixo,
1:26b.COL.001.026 kwaimfihlelo, leyo ke ibifihliwe kwasemaphakadeni nasezizukulwaneni; kukalokunje ibonakalalisiweyo kubo abangcwele bakhe,
1:27b.COL.001.027 awathandayo uThixo ukubazisa bona into obuyiyo ubutyebi bozuko lwaloo mfihlelo phakathi kwazo iintlanga, obunguKristu phakathi kwenu, ithemba lozuko.
1:28b.COL.001.028 Sazisa yena ke thina, siluleka wonke umntu, sifundisa wonke umntu ngabo bonke ubulumko, ukuze simise wonke umntu egqibelele ekuKristu Yesu;
1:29b.COL.001.029 endibulalekela kona oko, ndizama ngokokusebenza kwakhe okusebenzayo kum ngamandla.
2
2:1b.COL.002.001 Kuba ndithanda ukuba nikwazi ukuba kukhulu kwako ukuzama endikuzamayo ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo bonke abangabubonanga ubuso bam ngokwenyama;
2:2b.COL.002.002 ukuze zithuthuzelwe iintliziyo zabo, bebandakanyiwe ngothando, kusingise kuyo yonke indyebo yokuqonda okuqinisekileyo, kusingise ekwazini imfihlelo kaThixo uYise, nekaKristu,
2:3b.COL.002.003 ekufihlwe kuye bonke ubutyebi bobulumko nobokwazi.
2:4b.COL.002.004 Nditsho ke, ukuze kungabikho bani unilukuhlayo ngentetho egudileyo.
2:5b.COL.002.005 Kuba nangona ndingekhoyo ngenyama, khona ngomoya ndinani, ndivuya, ndibona ulungelelwano lwenu, nokuzimaseka kokukholwa kwenu kuKristu.
2:6b.COL.002.006 Njengokuba ngoko namamkelayo uKristu Yesu iNkosi, hambani kuye, nendele nakhelwe kuye,
2:7b.COL.002.007 naqiniswa ngokholo, njengoko nafundiswayo nafezeka kulo, ninombulelo.
2:8b.COL.002.008 Lumkani, kungabikho bani unithimbayo ngayo intanda-bulumko, nangokulukuhla okungento yanto, ngokwesithethe sabantu, ngokweziqalelo zehlabathi, kungengokukaKristu.
2:9b.COL.002.009 Ngokuba kuhleli kuye konke ukuzaliseka kobuThixo ngokomzimba;
2:10b.COL.002.010 kanjalo nigqibelele kuye, oyintloko yabo bonke ubulawuli negunya;
2:11b.COL.002.011 enathi kuye naluswa nokwaluswa ngolwaluko olungenakwenziwa ngazandla, ngako ukuhluba umzimba wenyama, ngalo ulwaluko lukaKristu;
2:12b.COL.002.012 ningcwatywe naye elubhaptizweni; enathi nikuye, navuswa nokuvuswa naye, ngokukholwa kwenu kukusebenza kukaThixo, owamvusa kubo abafileyo.
2:13b.COL.002.013 Nani, nifile nje ziziphoso nakukungaluki kwenyama yenu, unidlise ubomi ndawonye naye, enixolele zonke iziphoso.
2:14b.COL.002.014 Ewucimile umbhalo wesandla owalana nathi, owawumelene nathi ngayo imimiselo, uwususile ke kanye, ngokuwubethelela emnqamlezweni;
2:15b.COL.002.015 ebabhunyule obalawuli nomagunya, wabenza isibonelo ekuhleni, ememelela ngabo ekuwo umnqamlezo.
2:16b.COL.002.016 Makungabikho mntu ngoko unigwebayo ngento edliwayo, nangento eselwayo, nangendawo yomthendeleko, nangenyanga ethwasileyo, nangeesabatha;
2:17b.COL.002.017 ezisisithunzi sezinto eziza kuza; ke sona isiqu sesikaKristu.
2:18b.COL.002.018 Makungabikho namnye unilahlekanisa nomvuzo wenu, ethanda ukwenjenjalo ngokuthobeka kwentliziyo, nangokunqula izithunywa zezulu, engena ezintweni angazibonanga, efumana wakhukhumaliswa yiyo ingqiqo yenyama yakhe,
2:19b.COL.002.019 engabambe yona iNtloko, ekuphuma kuyo ukuthi umzimba wonke ukhule ngokukhulisa kukaThixo, uncedwa, ubandakanywa ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu nemisipha.
2:20b.COL.002.020 Ukuba ngoko nafa noKristu, nakhululeka kuzo iziqalelo zehlabathi, yini na ukuba ninge nisadla ubomi ngokwabehlabathi, nimiselwe imimiselo
2:21b.COL.002.021 (eyokuthi, Musa ukuphatha, musa ukungcamla, musa ukuchukumisa,
2:22b.COL.002.022 kanti zonke ezi zinto zezonakaliswa kukudliwa), nenze ngokwemithetho neemfundiso zabantu?
2:23b.COL.002.023 Okunene zizinto ezo ezidunyelwe bubulumko ngokunqula okuzithandelayo, nangokuthobeka kwentliziyo, nangokubandezela umzimba, kodwa kungengambeko yanelisa inyama.
3
3:1b.COL.003.001 Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo.
3:2b.COL.003.002 Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni.
3:3b.COL.003.003 Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo.
3:4b.COL.003.004 Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini.
3:5b.COL.003.005 Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko;
3:6b.COL.003.006 eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo;
3:7b.COL.003.007 enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuya nibe nisidla ubomi nikuzo.
3:8b.COL.003.008 Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu.
3:9b.COL.003.009 Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe,
3:10b.COL.003.010 nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo;
3:11b.COL.003.011 apho kungekho mGrike namYuda, kwaluka nokungaluki, mbharbhari namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke.
3:12b.COL.003.012 Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo,
3:13b.COL.003.013 ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani.
3:14b.COL.003.014 Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo.
3:15b.COL.003.015 Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela.
3:16b.COL.003.016 Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngabo bonke ubulumko; nithi, ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi.
3:17b.COL.003.017 Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise.
3:18b.COL.003.018 Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele abaseNkosini.
3:19b.COL.003.019 Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi bukhali kubo.
3:20b.COL.003.020 Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi.
3:21b.COL.003.021 Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangafi iintliziyo.
3:22b.COL.003.022 Nina bakhonzi, balulameleni ezintweni zonke abaziinkosi zenu ngokwenyama; kungabi ngankonzo yamehlo, ngathi ningabakholisi-bantu; makube ngokwentliziyo engenakumbi, nisoyika uThixo.
3:23b.COL.003.023 Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kunge kukwiNkosi, akukhona kubantu;
3:24b.COL.003.024 nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa; kuba nikhonza iNkosi uKristu.
3:25b.COL.003.025 Lowo umonayo omnye uya kukuthwala oko kona one ngako; kanjalo akukho kukhetha buso bamntu.
4
4:1b.COL.004.001 Nina baziinkosi, baphatheni ngokufanelekileyo nangokulungeleleneyo abanikhonzayo; nisazi nje ukuba nani ngokwenu nineNkosi emazulwini.
4:2b.COL.004.002 Zingisani ukuthandaza, niphaphamile kuko, ninombulelo;
4:3b.COL.004.003 kunye noko nisithandazela, ukuze uThixo asivulele umnyango welizwi, ukuba siyithethe imfihlelo kaKristu, endikhonkxwe ngenxa yayo;
4:4b.COL.004.004 ukuze ndiyibonakalalise, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
4:5b.COL.004.005 Hambani ngobulumko ngakwabo bangaphandle, nilonga ixesha eli.
4:6b.COL.004.006 Ukuthetha kwenu makuhlale kumnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye.
4:7b.COL.004.007 Izinto zonke ezilunge nam wonazisa uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo, ongumkhonzi kunye nam eNkosini;
4:8b.COL.004.008 endimthumele khona oku kuni, ukuze azazi iindawo ezingani, azithuthuzele iintliziyo zenu;
4:9b.COL.004.009 kunye no-Onesimo, umzalwana othembekileyo, oyintanda, ongomnye wenu. Bonazisa izinto zonke zalapha.
4:10b.COL.004.010 Uyanibulisa uAristarko, ongumbanjwa ndawonye nam, noMarko umtshana kaBharnabhas, enamkela imithetho ngaye; ukuba uthe weza kuni, mamkeleni;
4:11b.COL.004.011 noYesu, ekuthiwa nguYusto, kwabolwaluko; ngabo bodwa abasebenzisana nam ngenxa yobukumkani bukaThixo, abathe bona baba sisonwabiso kum.
4:12b.COL.004.012 Uyanibulisa uEpafra ongomnye wenu, umkhonzi kaKristu, ehlala ezama ngenxa yenu emithandazweni, ukuze nime nigqibelele, nizalisekile kuko konke ukuthanda kukaThixo.
4:13b.COL.004.013 Kuba ndiyamngqinela ukuba unenzondelelo enkulu ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo baseHirapoli.
4:14b.COL.004.014 Uyanibulisa uLuka, igqirha eliyintanda, noDemas.
4:15b.COL.004.015 Bulisani kubazalwana abaseLawodike, nakuNimfa, nakulo ibandla elisendlwini yakhe.
4:16b.COL.004.016 Xa ke le ncwadi ithe yaleswa kuni, ize nenze ukuba ileswe nasebandleni eliseLawodike; nani niyilese leyo iphuma eLawodike.
4:17b.COL.004.017 Yithini kuArkipo, Lukhangele ulungiselelo owalwamkelayo lwaseNkosini, ukuze uluzalise.
4:18b.COL.004.018 Umbuliso lo ungesam isandla, mna Pawulos. Yikhumbuleni imixokelelwane yam. Ubabalo malube nani. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Colossians (Xhosa). Colossians (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C40C-E