Ephesians (Xhosa)
1
1:1b.EPH.001.001 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ubhalela abangcwele abase-Efese, abakholwayo kuKristu Yesu;
1:2b.EPH.001.002 athi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
1:3b.EPH.001.003 Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, lowo wasisikelelayo ngeentsikelelo zonke zoMoya kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu;
1:4b.EPH.001.004 njengokuba wathi, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, wasinyulela kuye, ukuba sibe ngcwele, singabi nasiphako phambi kwakhe;
1:5b.EPH.001.005 othe ngokusithanda wasimisela ngenxa engaphambili, ukuba senziwe oonyana kuye ngokwakhe ngoYesu Kristu, ngokwenkolelo yokuthanda kwakhe,
1:6b.EPH.001.006 ukuze kudunyiswe uzuko lobabalo lwakhe, awasibabala ngalo sikuye Othandiweyo;
1:7b.EPH.001.007 esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa ke kweziphoso zethu, ngokobutyebi bobabalo lwakhe;
1:8b.EPH.001.008 awaluphuphumisela kuthi, lunabo bonke ubulumko nokuqonda;
1:9b.EPH.001.009 esazisile imfihlelo yokuthanda kwakhe ngokwenkolelo yakhe, awayimisayo ngokwakhe,
1:10b.EPH.001.010 ebhekise ekuhleleni aya kuhlela ngako, akuzaliseka amaxesha, ukuba azihlanganisele zonke izinto kuye uKristu, ezisemazulwini kwanezisemhlabeni;
1:11b.EPH.001.011 ewe, kuye lo sithe sikuye sadla ilifa; simisiwe ngenxa engaphambili ngokwengqibo yozisebenzayo zonke ezo nto ngokwecebo lokuthanda kwakhe;
1:12b.EPH.001.012 ukuze sibe ngabokudumisa uzuko lwakhe, thina aba sathi ngenxa engaphambili sathembela kuye uKristu;
1:13b.EPH.001.013 enithe, nikuye nani, nakuliva ilizwi lenyaniso, iindaba ezi zilungileyo zokusindiswa kwenu-enithe, nakukholwa nokukholwa kuye, natywinwa naqiniselwa ngaye uMoya oyiNgcwele wedinga,
1:14b.EPH.001.014 osisinyaniso selifa lethu, ukude kugqibelele ukukhululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo kuye, ukuba kudunyiswe uzuko lwakhe.
1:15b.EPH.001.015 Ngenxa yoko nam, ndakuba ndikuvile okwenu ukukholwa yiNkosi uYesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele,
1:16b.EPH.001.016 andiphezi ukubulela ngenxa yenu, ndinikhumbula emithandazweni yam,
1:17b.EPH.001.017 ukuba uThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko, aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle;
1:18b.EPH.001.018 nikhanyiselwe amehlo engqondo, ukuze nilazi into eliyiyo ithemba lobizo lwakhe, nento obuyiyo ubutyebi bobuqaqawuli belifa lakhe phakathi kwabo abangcwele;
1:19b.EPH.001.019 nento obuyiyo ubukhulu obuncamisileyo bamandla akhe abhekisele kuthi, thina bakholwayo, angokokusebenza kokuqinisela kokomelela kwakhe,
1:20b.EPH.001.020 awakusebenza kuye uKristu, ekumvuseni kwakhe kwabafileyo; waza wamhlalisa ngasekunene kwakhe kwezasemazulwini iindawo,
1:21b.EPH.001.021 ngaphezu kwalo lonke ulawulo, negunya, namandla, nobukhosi, nalo lonke igama elikhankanywayo, kungekhona kweli phakade lodwa, kunakwelo lizayo.
1:22b.EPH.001.022 Waza izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe, wammisa ukuba abe yintloko phezu kweento zonke kulo ibandla,
1:23b.EPH.001.023 lona lingumzimba wakhe, ukuzala ke oko kozizalisayo izinto zonke ngako konke.
2
2:1b.EPH.002.001 Nani unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso na zizono;
2:2b.EPH.002.002 enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seli hlabathi, ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo;
2:3b.EPH.002.003 esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo.
2:4b.EPH.002.004 Ke uThixo, esisityebi nje ngenceba, uthe ngenxa yothando lwakhe olukhulu, awasithanda ngalo,
2:5b.EPH.002.005 thina sifile nje ziziphoso, wasidlisa ubomi ndawonye noKristu (nisindiswe ngokubabalwa),
2:6b.EPH.002.006 wasivusa naye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu Yesu;
2:7b.EPH.002.007 ukuze ubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwakhe abubonakalalise emaphakadeni azayo, ngokusenzela ububele ngoKristu Yesu.
2:8b.EPH.002.008 Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo;
2:9b.EPH.002.009 akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo.
2:10b.EPH.002.010 Kuba thina singumsebenzi wakhe, sidalelwe kuKristu Yesu, ukuze senze imisebenzi elungileyo, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo.
2:11b.EPH.002.011 Ngoko ndithi, Khumbulani ukuba nina, enibe nifudule niziintlanga ngokwenyama, kusithiwa ningabangalukileyo, ngabo kuthiwa ngabolwaluko olwenziwe ngezandla enyameni:
2:12b.EPH.002.012 okokuba ngelo xesha nibe ningenaKristu, ningazani nawo umzi wakwaSirayeli, ningabasemzini kuyo iminqophiso yalo idinga, ningenathemba, ningenaThixo ehlabathini.
2:13b.EPH.002.013 Ke ngoku ngoKristu Yesu, nina, enibe nifudula nikude, nithe naba kufuphi ngalo igazi likaKristu.
2:14b.EPH.002.014 Kuba nguye oluxolo lwethu, yena uthe izinto zombini wazenza zaba nye, waluchitha ke udonga lothango oluphakathi, ubumpi ke obo,
2:15b.EPH.002.015 akuba ewubhangisile, esenyameni yakhe, umyalelo wemithetho esemimiselweni; ukuze abo babini abadalele kuye ngokwakhe, babe mntu mnye, mtsha, esenza ke uxolo;
2:16b.EPH.002.016 nokuze abaxolelanise noThixo abo babini, babe mzimba mnye ngawo umnqamlezo, ebubulalele kuwo ubumpi obo.
2:17b.EPH.002.017 Weza ke washumayela iindaba ezilungileyo zoxolo kuni abo bakude, nakwabakufuphi;
2:18b.EPH.002.018 ngokuba kungaye ukungeniswa kwethu sobabini, siMoya mnye kuye uYise.
2:19b.EPH.002.019 Ngoko ke anisengabasemzini nabaphambukeli; ningamakhaya kubo abangcwele, ningabendlu kaThixo,
2:20b.EPH.002.020 nakhelwe phezu kwelitye lesiseko sabapostile nabaprofeti, inguYesu Kristu ngokwakhe ilitye lembombo;
2:21b.EPH.002.021 esithi kuye sonke isakhiwo, sihlangene kakuhle, sikhule, sibe yitempile engcwele eNkosini;
2:22b.EPH.002.022 enithi nani nakhelwe ndawonye kuye, ukuze nibe yindawo yokuhlala kaThixo ngaye uMoya.
3
3:1b.EPH.003.001 Ngenxa yoko, mna Pawulos, mbanjwa kaKristu Yesu ngenxa yenu zintlanga
3:2b.EPH.003.002 ukuba ke nikuvile ukugosisa kobabalo lukaThixo endanibabalelwa ngalo;
3:3b.EPH.003.003 okokuba wandazisa imfihlelo leyo ngokotyhilelo, njengoko sendibhale kade ngokufutshane;
3:4b.EPH.003.004 enothi ngoko, nakulesa, nibe nokuqiqa okwam ukuyiqonda imfihlelo kaKristu;
3:5b.EPH.003.005 ababengathanga kuzimbi izizukulwana bayaziswe oonyana babantu, njengoko bayityhilelweyo ngoku abapostile bakhe abangcwele, nabaprofeti bakhe, ngaye uMoya;
3:6b.EPH.003.006 eyokuba iintlanga ziziindlalifa nathi, zikwamzimba mnye nathi, zingamahlulelana nathi ngedinga lakhe, sikuye nje uKristu ngazo iindaba ezilungileyo,
3:7b.EPH.003.007 endaba ngumlungiseleli wazo ngokwesipho sobabalo lukaThixo, endababalwa ngaso ngokokusebenza kwamandla akhe.
3:8b.EPH.003.008 Mna lo, unguyena mncinanana kubo bonke abangcwele, ndababalwa ngolo lubabalo, lokuba ndishumayele phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu;
3:9b.EPH.003.009 ndibakhanyisele bonke, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu;
3:10b.EPH.003.010 ukuze ngoku oozilawuli noomagunya, abakwezasemazulwini iindawo, babaziswe ngalo ibandla ubulumko bukaThixo, obuziintlobo ezininzi,
3:11b.EPH.003.011 ngokokwengqibo yakhe yasemaphakadeni, awayenzayo kuKristu Yesu, iNkosi yethu;
3:12b.EPH.003.012 esinako sikuye ukungafihlisi kwethu, nokungeniswa kuye sikholosile, ngokukholwa kuye.
3:13b.EPH.003.013 Kungoko ndicelayo ukuba ningethi amandla ziimbandezelo zam, ezingenxa yenu, zona ezi ziluzuko lwenu.
3:14b.EPH.003.014 Ngenxa yoko ndiyawagoba amadolo am kuye uYise weNkosi yethu uYesu Kristu,
3:15b.EPH.003.015 ebizwe ngaye yonke imizalwane esemazulwini nesemhlabeni,
3:16b.EPH.003.016 ukuba aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi;
3:17b.EPH.003.017 ukuba uKristu ahlale ngalo ukholo ezintliziyweni zenu, nendele nisekelwe eluthandweni,
3:18b.EPH.003.018 ukuze nithi, ndawonye nabo bonke abangcwele, nibe nako kanye ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama kwalo,
3:19b.EPH.003.019 kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi; ukuze niye nizala ngako konke ukuzala kukaThixo.
3:20b.EPH.003.020 Kuye ke onako ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa, ngokokwamandla asebenzayo ngaphakathi kwethu,
3:21b.EPH.003.021 kuye malubekho uzuko ebandleni elikuKristu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana zalo iphakade lasemaphakadeni. Amen.
4
4:1b.EPH.004.001 Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo,
4:2b.EPH.004.002 ninako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nisenziwa luthando,
4:3b.EPH.004.003 nikhuthalele ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo.
4:4b.EPH.004.004 Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwayo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu.
4:5b.EPH.004.005 Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo,
4:6b.EPH.004.006 mnye uThixo, uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke.
4:7b.EPH.004.007 Ke elowo kuthi wababalwa ngokomlinganiso wokupha kukaKristu.
4:8b.EPH.004.008 Kungoko athi, Enyuke waya enyangweni, wathimba intimbo, Wabapha izipho abantu.
4:9b.EPH.004.009 Oko ke kuthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona ziseza ntsi iindawo zomhlaba?
4:10b.EPH.004.010 Owehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto.
4:11b.EPH.004.011 Waza kwayena wabapha abanye ukuba babe ngabapostile, abanye babe ngabaprofeti, abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalusi nabafundisi,
4:12b.EPH.004.012 ukuze abangcwele basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo, ukwakhiwa ke komzimba kaKristu;
4:13b.EPH.004.013 side thina sonke sifike kubo ubunye benkolo, nobokumazi okuzeleyo uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu;
4:14b.EPH.004.014 ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokunyanga kwabantu, ngobuqhetseba obusemaqhingeni olahlekiso;
4:15b.EPH.004.015 sithi ke, sinyanisekile eluthandweni, sikhulele, ngeendawo zonke, kuye lo uyintloko, uKristu;
4:16b.EPH.004.016 ekuphuma kuye ukuthi, umzimba wonke uhlangane kakuhle, ubandakanywe ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu okuluncedo, okusebenza ngomlinganiso weendawo zonke ngazinye, ukhulise umzimba, use ekuzakheni ngothando.
4:17b.EPH.004.017 Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuthi, maningabi sahamba njengoko zihamba ngako nezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo,
4:18b.EPH.004.018 zenziwe mnyama iingqondo, zingazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yazo;
4:19b.EPH.004.019 abathe bona, bengasaziva, bazinikela eburheletyweni, ukuze basebenze ukungcola konke, bebawa.
4:20b.EPH.004.020 Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu,
4:21b.EPH.004.021 ukuba kambe ningaba nimvile, nafundiswa nikuye, njengoko inyaniso ikuye uYesu;
4:22b.EPH.004.022 yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla;
4:23b.EPH.004.023 nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu,
4:24b.EPH.004.024 nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.
4:25b.EPH.004.025 Kungoko ke ndithi, lahlani ubuxoki, thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe; ngokuba singamalungu, omnye elelomnye.
4:26b.EPH.004.026 Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile;
4:27b.EPH.004.027 kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo.
4:28b.EPH.004.028 Lowo ubayo makangabi seba; kanye ke makabulaleke esebenza okulungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nako ukwabela osweleyo.
4:29b.EPH.004.029 Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; mayibe yesukuba ilungele ukuxuma oko kuluncedo, ukuze ibabale abevayo.
4:30b.EPH.004.030 Kanjalo musani ukumenza buhlungu uMoya oyiNgcwele kaThixo, enathi kuye natywinwa, naqiniselelwa imini yentlawulelo.
4:31b.EPH.004.031 Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke.
4:32b.EPH.004.032 Ke nina yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu, nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu.
5
5:1b.EPH.005.001 Ngoko yibani ngabaxelisa uThixo, ngokwabantwana abaziintanda;
5:2b.EPH.005.002 nihambe eluthandweni, kwanjengokuba naye uKristu wasithandayo, wazinikela ngenxa yethu, ukuba abe ngumnikelo nedini kuye uThixo, ukuba abe livumba elimnandi.
5:3b.EPH.005.003 Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele;
5:4b.EPH.005.004 kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo.
5:5b.EPH.005.005 Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.
5:6b.EPH.005.006 Makungabikho namnye unilukuhlayo ngamazwi alambathayo; kuba iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo.
5:7b.EPH.005.007 Ngoko musani ukuba ngamahlulelana nabo.
5:8b.EPH.005.008 Kuba nina naye nifudula nibubumnyama, ke ngoku nikukukhanya, niseNkosini nje; hambani ke ngokwabantwana bokukhanya.
5:9b.EPH.005.009 Kuba sona isiqhamo soMoya sikuko konke ukulunga, nobulungisa, nenyaniso;
5:10b.EPH.005.010 nicikida ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi.
5:11b.EPH.005.011 Kanjalo musani ukuba nabudlelane ngemisebenzi yobumnyama engenasiqhamo; makube kukhona niyohlwayayo.
5:12b.EPH.005.012 Kuba izinto ezenziwa ngabo emfihlekweni kulihlazo nokuzithetha.
5:13b.EPH.005.013 Ke zonke ezi zinto, zakohlwaywa, ziyabonakalaliswa kukukhanya; kuba konke okubonakalaliswayo kukukhanya.
5:14b.EPH.005.014 Kungoko athi, Vuka wena uleleyo, uvuke kwabafileyo; uKristu wokukhanyisela.
5:15b.EPH.005.015 Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko;
5:16b.EPH.005.016 nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo.
5:17b.EPH.005.017 Ngenxa yoko musani ukuba ziintsweli-kuqonda; yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi.
5:18b.EPH.005.018 Kanjalo musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; manizaliswe nguMoya;
5:19b.EPH.005.019 nithetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi,
5:20b.EPH.005.020 nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise;
5:21b.EPH.005.021 nilulamelana ngokoyika uThixo.
5:22b.EPH.005.022 Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi;
5:23b.EPH.005.023 ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla, eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba.
5:24b.EPH.005.024 Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke.
5:25b.EPH.005.025 Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo;
5:26b.EPH.005.026 ukuze alingcwalise, elihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi;
5:27b.EPH.005.027 ukuze alimise phambi kwakhe linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo, ukuze libe ngcwele, lingabi nasiphako.
5:28b.EPH.005.028 Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda;
5:29b.EPH.005.029 kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla.
5:30b.EPH.005.030 Ngokuba singamalungu omzimba wayo, singabenyama yayo, singabamathambo ayo.
5:31b.EPH.005.031 Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele kuye umkakhe, baze abo babini babe nyama-nye.
5:32b.EPH.005.032 Loo mfihlelo inkulu; ke mna ndithetha ndisingisele kuKristu, ndisingisele nakulo ibandla.
5:33b.EPH.005.033 Kodwa ke manithi nani ngabanye, elowo amthande umkakhe, njengoko azithanda ngako; umfazi ke makayoyike indoda.
6
6:1b.EPH.006.001 Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa.
6:2b.EPH.006.002 Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga;
6:3b.EPH.006.003 ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni.
6:4b.EPH.006.004 Nani boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.
6:5b.EPH.006.005 Nina bakhonzi, baveni abaziinkosi zenu ngokwenyama, ninokuzoyikela nokugubha, ningenakumbi ezintliziyweni zenu, ninge niva uKristu ngokwakhe.
6:6b.EPH.006.006 Ukukhonza kwenu makungabi ngokweliso, ngathi nithomalalisa abantu; makube ngokwabakhonzi bakaKristu, nikwenza ukuthanda kukaThixo ngokwasemphefumlweni,
6:7b.EPH.006.007 nikhonza ngentumekelelo, kukuyo iNkosi, kungekubo abantu;
6:8b.EPH.006.008 nisazi nje ukuba into esukuba ilungile, athe ulowo wayenza, uya kwamkeliswa kwayona yiNkosi, nokuba uNonzi nokuba ungokhululekileyo.
6:9b.EPH.006.009 Nani baziinkosi zabo, yenzani kwaezo zinto kubo, nikuyeke ukusongela; nisazi nje ukuba kwaeyabo neyenu iNkosi isemazulwini, nokuba akukho kukhetha buso kuyo.
6:10b.EPH.006.010 Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo.
6:11b.EPH.006.011 Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi.
6:12b.EPH.006.012 Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.
6:13b.EPH.006.013 Ngenxa yoko, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo; ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi.
6:14b.EPH.006.014 Misani ke ngoko, nibhinqe inyaniso esinqeni senu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa,
6:15b.EPH.006.015 nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo.
6:16b.EPH.006.016 Ngaphezu kwezo zinto zonke, qubulani ikhaka lokholo, lona nothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zakhe ongendawo.
6:17b.EPH.006.017 Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo;
6:18b.EPH.006.018 ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele;
6:19b.EPH.006.019 nangenxa yam, ukuba ndiphiwe ilizwi ekuwuvuleni umlomo wam, ndize ndazise ngokungafihlisiyo imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo,
6:20b.EPH.006.020 ekungenxa yazo endisisigidimi esisezintanjeni; ukuze ndingafihlisi ukuthetha kuzo, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
6:21b.EPH.006.021 Ke kaloku, ukuze nani nikwazi okukokwam, ukuba ndinjani na, wonazisa konke uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo ngokwaseNkosini;
6:22b.EPH.006.022 endimthume le nto kuni, ukuze nizazi iindaba zethu, nokuze azithuthuzele iintliziyo zenu.
6:23b.EPH.006.023 Makube luxolo kubo abazalwana, nothando, ndawonye nokholo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu.
6:24b.EPH.006.024 Ubabalo malube nabo bonke abayithandayo iNkosi yethu uYesu Kristu ngokungenakonakala. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Ephesians (Xhosa). Ephesians (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C406-4