Galatians (Xhosa)
1
1:1b.GAL.001.001 UPawulos, umpostile (ongavele bantwini, kanjalo kungengamntu; kungaye uYesu Kristu, noThixo uYise, owamvusayo kwabafileyo),
1:2b.GAL.001.002 kwanabazalwana aba bonke banam, uthi kuwo amabandla kaThixo akwelaseGalati:
1:3b.GAL.001.003 Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu;
1:4b.GAL.001.004 owazinikelayo ngenxa yezono zethu, ukuze asinyothule kwiphakade eli langoku lingendawo, ngokokuthanda kukaThixo uBawo wethu.
1:5b.GAL.001.005 Kuye makubekho uzuko, kude kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
1:6b.GAL.001.006 Ndimangalisiwe kukuba niphambuke kamsinya kangaka kulowo wanibizayo ngobabalo lukaKristu, niye kwiindaba ezilungileyo ezizimbi;
1:7b.GAL.001.007 ezingezizo nokuba zizo ezinye; koko kukho bathile banikhathazayo, bathandayo ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo zikaKristu.
1:8b.GAL.001.008 Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi.
1:9b.GAL.001.009 Njengokuba besesitshilo, ndiyaphinda, ndithi nangoku, Ukuba ubani unishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo nazamkelayo, makasingelwe phantsi.
1:10b.GAL.001.010 Kuba ngoku ndithomalalisa abantu, ndithomalalisa uThixo, kusini na? Ndifuna ukukholisa abantu na? Ukuba ndingaba ndisakholisa abantu, ndingaba andingumkhonzi kaKristu.
1:11b.GAL.001.011 Ke kaloku, ndiyanazisa, bazalwana, ukuba azingokomntu iindaba ezilungileyo ezi, zashunyayelwayo ndim;
1:12b.GAL.001.012 kuba nam lo andizamkelanga mntwini, andizifundiswanga nokuzifundiswa; ndazamkela ngokutyhilelwa nguYesu Kristu.
1:13b.GAL.001.013 Kuba nayiva eyam ihambo eyayifudula isebuYudeni, ukuba ndaye ndilitshutshisa ndilibhuqa ibandla likaThixo ngokuncamisileyo;
1:14b.GAL.001.014 ndaye ndihambela phambili ebuYudeni, ngaphezu kwabaninzi ababeziintanga zam eluhlangeni lwakowethu, ndizizondelele ngokugqithiseleyo izithethe zoomawokhulu.
1:15b.GAL.001.015 Ke, xenikweni kwakholekayo kuThixo, owandahlulayo kwasesizalweni sikama, wandibiza ngalo ubabalo lwakhe,
1:16b.GAL.001.016 ukuba amtyhile uNyana wakhe ngaphakathi kwam, ukuze ndimshumayele ngeendaba ezilungileyo phakathi kweentlanga: kwaoko andibhekisanga nto kwinyama negazi.
1:17b.GAL.001.017 Andinyukanga nokunyuka ndiye eYerusalem, kubo ababengabapostile ngaphambi kwam; ndesuka ndaya kwelaseArabhi, ndaza ndabuyela eDamasko.
1:18b.GAL.001.018 Ndandula ndathi, emva kweminyaka emithathu, ndenyuka ndaya eYerusalem, ukuba ndazane noPetros; ndahlala naye iintsuku ezilishumi elinantlanu.
1:19b.GAL.001.019 Andibonanga wumbi ke kubapostile, yaba nguYakobi, umzalwana weNkosi, yedwa.
1:20b.GAL.001.020 Izinto ke endinibhalela zona, yabonani, ndithetha emehlweni kaThixo, andixoki.
1:21b.GAL.001.021 Emva koko ndeza kwimimandla yelaseSiriya nelaseKilikiya;
1:22b.GAL.001.022 ndaye ke ndingaziwa ngesiqu ngawo amabandla akwelamaYuda, akuKristu;
1:23b.GAL.001.023 banela ukuva kwakuphela ukuba, Lowo wayefudula esitshutshisa, ngoku ushumayela iindaba ezilungileyo zokholo abefudula elubhuqa.
1:24b.GAL.001.024 Bamzukisa uThixo ngam.
2
2:1b.GAL.002.001 Ndaza emva kweminyaka elishumi elinamine, ndabuya ndenyuka ndaya eYerusalem ndinoBharnabhas, ndathabatha noTito.
2:2b.GAL.002.002 Ndenyuka ke ngokwesityhilelo, ndazandlala phambi kwabo iindaba ezilungileyo endizivakalisayo phakathi kweentlanga; ndazandlala ke phambi kwabo badumileyo bebodwa, hleze ndibe ndifumana ndibaleka, mhlawumbi ndibe ndafumana ndabaleka.
2:3b.GAL.002.003 NoTito lo, ubenam, nangona ebengumGrike, akanyanzelwanga ukuba aluke:
2:4b.GAL.002.004 ngenxa ke yabazalwana ababuxoki, abangeniswayo bucala, bona bangena ngokunyebeleza, besiza kuhlola inkululeko yethu esinayo kuKristu Yesu, ukuze basithobele ebukhobokeni.
2:5b.GAL.002.005 Esathi abo asabavumela ngolulamo nokwexa elinye, ukuze inyaniso yeendaba ezilungileyo ihlale ihleli kuni.
2:6b.GAL.002.006 Ke aba badumele ukuba bayinto, nokuba babefudula benjani, akunto oko kum; uThixo akakhethi buso bamntu. Kuba aba babedume ngobunto ababhekisanga nto kum.
2:7b.GAL.002.007 Basuka bathi kanye, bakubona ukuba ndiziphathisiwe iindaba ezilungileyo kwabangalukileyo, njengokuba uPetros ebeziphathisiwe kwabolwaluko
2:8b.GAL.002.008 (kuba kwalowo wamsebenzelayo uPetros ngokusingisele kubo ubupostile babolwaluko, wandisebenzela nam ngokusingisele kwiintlanga);
2:9b.GAL.002.009 kananjalo bakulwazi ubabalo endababalwa ngalo: bathi ooYakobi noKefas noYohane, abo ke babedume ukuba baziintsika, basinika thina noBharnabhas izandla zokunene zobudlelane, ukuze siye thina kwiintlanga; bona ke baye kwabolwaluko;
2:10b.GAL.002.010 bathi, maze siwakhumbule amahlwempu; into ke leyo endandiyikhuthalela ukuyenza.
2:11b.GAL.002.011 Ke kaloku, xenikweni uPetros wafikayo kwa-Antiyokwe, ndamelana naye ngokusekuhleni, ngokuba ube engogwetyiweyo.
2:12b.GAL.002.012 Kuba phambi kokuba kufike abathile bevela kuYakobi, wadla ndawonye nabeentlanga; ke wathi bakufika, wesuka wanqwanqwa, wazahlula kubo, esoyika abo bolwaluko.
2:13b.GAL.002.013 Ke ahanahanisa njengaye namanye amaYuda; wada noBharnabhas wakhukuliswa luhanahaniso lwawo.
2:14b.GAL.002.014 Xenikweni ke ndabonayo ukuba abathe ngqo ukuhamba enyanisweni yeendaba ezilungileyo, ndathi kuPetros phambi kwabo bonke, Ukuba wena, ungumYuda nje, uhleli ngokwabeentlanga, ungahlali ngokobuYuda, yini na ukuba ubanyanzele abeentlanga ukuba bahlale ngokobuYuda?
2:15b.GAL.002.015 Thina, singamaYuda ngemvelo, asingaboni abavela kwiintlanga,
2:16b.GAL.002.016 sisazi nje ukuba akagwetyelwa umntu ngokwasemisebenzini yomthetho, kuphela kungokukholwa kuYesu Kristu: sithe ke nathi aba sakholwa kuKristu Yesu, ukuze sigwetyelwe ngokwasekukholweni kuKristu, kungabi ngokwasemisebenzini yomthetho; ngokokuba akuyi kugwetyelwa mntu ngokwasemisebenzini yomthetho.
2:17b.GAL.002.017 Ke ukuba, sifuna nje ukugwetyelwa ngoKristu, sifunyanwa singaboni nathi ngokwethu, ndiyabuza ndithi, uKristu ungumlungiseleli wesono na ke ngoko? Nakanye!
2:18b.GAL.002.018 Kuba, ukuba izinto endazichithayo, ndibuya ndakhe zona, ndiyaziqondakalisa ngokwam ukuba ndingumgqithi.
2:19b.GAL.002.019 Kuba mna ngomthetho ndafa kumthetho, ukuze ubomi ndibudlele kuThixo.
2:20b.GAL.002.020 Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.
2:21b.GAL.002.021 Andilutshitshisi ubabalo lukaThixo; kuba, ukuba bungomthetho ubulungisa, oko uKristu angaba wafumana wafa.
3
3:1b.GAL.003.001 Ehlani, maGalati aswele ukuqonda! Ngubani na oninyangileyo, ukuba ningayithambeli nje inyaniso, ebethe nje phambi kwamehlo enu uYesu Kristu wabhalwa, wabhegezwa phakathi kwenu, ebethelelwe emnqamlezweni?
3:2b.GAL.003.002 Ndithanda ukukha ndiqonde kuni le ndawo yodwa: Namamkela uMoya emisebenzini yomthetho, namamkela ezindabeni zokholo, kusini na?
3:3b.GAL.003.003 Ninje na ukuswela ukuqonda? Nakuba niqale kuMoya, ngoku nigqibela kwinyama na?
3:4b.GAL.003.004 Izinto ezinzima kangaka nafumana naziva na? ukuba kanti benifumana nisenza.
3:5b.GAL.003.005 Lowo ngoko uniphayo uMoya, usebenza imisebenzi yamandla kuni, ukwenza oko ngokwasemisebenzini yomthetho, ukwenza ngokwasezindabeni zokholo, kusini na?
3:6b.GAL.003.006 njengokuba uAbraham wakholwayo nguThixo, kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye.
3:7b.GAL.003.007 Yazini ngoko ukuba abaselukholweni, ngabo abo abangoonyana baka-Abraham.
3:8b.GAL.003.008 Isibhalo, sibona ke ngenxa engaphambili ukuba uThixo uyazigwebela iintlanga ngokwaselukholweni, sazishumayela ngenxa engaphambili iindaba ezilungileyo kuAbraham, sisithi, Ziya kusikelelelwa kuwe zonke iintlanga.
3:9b.GAL.003.009 Ngoko ke abaselukholweni bayasikelelwa ndawonye noAbraham okholwayo.
3:10b.GAL.003.010 Kuba bonke abangabasemisebenzini yomthetho, baphantsi kwesiqalekiso; kuba kubhaliwe kwathiwa, Baqalekisiwe bonke abangahlaliyo ezintweni zonke ezibhaliweyo encwadini yomthetho, ukuba bazenze.
3:11b.GAL.003.011 Okokuba ke akukho namnye ugwetyelwayo ngomthetho kuye uThixo, kuyabonakala; ngokuba lowo ulilungisa, uya kudla ubomi obuphuma elukholweni.
3:12b.GAL.003.012 Wona ke umthetho asingowaselukholweni; uthi, umntu owazenzayo ezo zinto uya kudla ubomi ngazo.
3:13b.GAL.003.013 UKristu wasithenga, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu (kuba kubhaliwe kwathiwa, Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe emthini);
3:14b.GAL.003.014 ukuze intsikelelo ka-Abraham ibe sezintlangeni ngoKristu Yesu, ukuze idinga loMoya silamkele ngalo ukholo.
3:15b.GAL.003.015 Bazalwana, ndithetha ngokwabantu: kwanowomntu umnqophiso ozinzisiweyo, akukho namnye uwutshitshisayo, athi mhlawumbi ongeze kuwo.
3:16b.GAL.003.016 Enziwa ke kuye uAbraham amadinga, nakuyo imbewu yakhe. Akathi, nakuzo iimbewu, ngathi uthetha ezininzi; usuka ngathi uthetha nye, athi, Nakuyo imbewu yakho: nguKristu ke lowo.
3:17b.GAL.003.017 Ukutsho ke ndithi, Umnqophiso ozinzisiweyo ngenxa engaphambili nguThixo, usingisele kuKristu, awunakuphangwa igunya ngumthetho, owabakhoyo emva kweminyaka engamakhulu omane anamanci mathathu, ukuze ulibhangise idinga elo.
3:18b.GAL.003.018 Kuba ilifa elo, ukuba liphuma emthethweni, loba alisaphumi edingeni; ke yena uThixo umbabale uAbraham ngedinga.
3:19b.GAL.003.019 Uyintoni na ngoko umthetho? Walekelwa ngenxa yezigqitho, ukude ifike imbewu leyo yayibekwe ngedinga; wamiswa ngezithunywa zezulu, sisandla somlamleli.
3:20b.GAL.003.020 Ke umlamleli akamnye; uThixo ke yena mnye.
3:21b.GAL.003.021 Umthetho ngoko uchasene na namadinga kaThixo? Nakanye! Kuba, ukuba bekuwiswe umthetho onako ukudlisa ubomi, kuhleliwe nje, ngebuphume emthethweni lowo ubulungisa.
3:22b.GAL.003.022 Ke sona isibhalo sisuke sazivalela ndawonye izinto zonke phantsi kwesono, ukuze idinga eliphuma ekukholweni kuYesu Kristu linikwe abakholwayo.
3:23b.GAL.003.023 Ngaphambi ke kokufika kokholo, sasilindwa, siphantsi komthetho, sivalelwe ndawonye kude kufike ukholo olu, lube luza kutyhilwa.
3:24b.GAL.003.024 Ngoko ke umthetho waba ngosikhaphela kuKristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni.
3:25b.GAL.003.025 Lwakuba lufikile ke ukholo, asibi saba phantsi kwamkhapheli.
3:26b.GAL.003.026 Kuba nina nonke ningoonyana bakaThixo ngako ukukholwa, nikuKristu Yesu;
3:27b.GAL.003.027 kuba nina nonke, nabhaptizelwayo kuKristu, namambatha uKristu.
3:28b.GAL.003.028 Akusekho mYuda namGrike; akusekho khoboka nakhululekileyo; akusekho ndoda nankazana; kuba nina nonke nimntu mnye, nikuKristu Yesu.
3:29b.GAL.003.029 Ukuba ke nina ningabakaKristu, niyimbewu ka-Abraham ngoko, neendlalifa ngokwedinga.
4
4:1b.GAL.004.001 Ndithi ke, indlalifa, ngexesha lonke engumntwana, ayahluke nganto kumkhonzi, nakuba iyinkosi yeento zonke;
4:2b.GAL.004.002 iphantsi kwabagcini namagosa, kude kufike ixesha elimiswe ngaphambili nguyise.
4:3b.GAL.004.003 Ngokunjalo nathi, xenikweni besingabantwana, besingamakhoboka aphantsi kweziqalelo zehlabathi.
4:4b.GAL.004.004 Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, othe wazalwa ngumntu oyinkazana; ethe wazalelwa phantsi komthetho,
4:5b.GAL.004.005 ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana.
4:6b.GAL.004.006 Ngokuba ke ningoonyana, uThixo wamkhupha uMoya woNyana wakhe, weza ezintliziyweni zenu, edanduluka esithi, Abha, Bawo.
4:7b.GAL.004.007 Ngoko ke akusengumkhonzi, ungunyana; ukuba ke ungunyana, ukwayindlalifa kaThixo ngoKristu.
4:8b.GAL.004.008 Kanti okunene, oko naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo;
4:9b.GAL.004.009 ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nenza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha?
4:10b.GAL.004.010 Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka.
4:11b.GAL.004.011 Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu.
4:12b.GAL.004.012 Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam, ngokuba nam ndaba njengani; anindonanga nganto.
4:13b.GAL.004.013 Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala.
4:14b.GAL.004.014 Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe.
4:15b.GAL.004.015 Kwabe kuyintoni na ngoko ukuziyolisa kwenu? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika.
4:16b.GAL.004.016 Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni?
4:17b.GAL.004.017 Bayanincekelela ngokungekuhle; basuka bathande ukunivalela phandle, ukuze nibancekelele nani.
4:18b.GAL.004.018 Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni.
4:19b.GAL.004.019 Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu,
4:20b.GAL.004.020 bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani.
4:21b.GAL.004.021 Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho?
4:22b.GAL.004.022 Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo.
4:23b.GAL.004.023 Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga.
4:24b.GAL.004.024 Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo;
4:25b.GAL.004.025 kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo.
4:26b.GAL.004.026 Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo.
4:27b.GAL.004.027 Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda.
4:28b.GAL.004.028 Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga.
4:29b.GAL.004.029 Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku.
4:30b.GAL.004.030 Sithini na ke sona isibhalo? Sithi, Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo.
4:31b.GAL.004.031 Ngoko, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo.
5
5:1b.GAL.005.001 Yimani ngoko enkululekweni, athe uKristu wasikhululela kuyo; nize ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka.
5:2b.GAL.005.002 Niyabona, mna, Pawulos, ndithi kuni, ukuba nithe naluka, uKristu akasayi kuninceda lutho.
5:3b.GAL.005.003 Ndiphinda ndingqina ke kumntu wonke owalukileyo, ukuba ungonetyala lokuwenza umthetho uphela.
5:4b.GAL.005.004 Nibhangile, nahlukana noKristu, nina aba nigwetyelwayo emthethweni, naphalala elubabalweni.
5:5b.GAL.005.005 Kuba thina ngoMoya silinde kakhulu ithemba lobulungisa ngokwaselukholweni.
5:6b.GAL.005.006 Kuba kwabakuKristu Yesu akunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando.
5:7b.GAL.005.007 Nibe nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso?
5:8b.GAL.005.008 Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo.
5:9b.GAL.005.009 Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.
5:10b.GAL.005.010 Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani.
5:11b.GAL.005.011 Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo.
5:12b.GAL.005.012 Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo.
5:13b.GAL.005.013 Kuba nina nabizelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane.
5:14b.GAL.005.014 Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
5:15b.GAL.005.015 Ukuba ke niyagrenyana, nidlane, lumkani ukuba ningagqitywa omnye ngomnye.
5:16b.GAL.005.016 Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama.
5:17b.GAL.005.017 Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda.
5:18b.GAL.005.018 Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho.
5:19b.GAL.005.019 Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo,
5:20b.GAL.005.020 ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano,
5:21b.GAL.005.021 oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.
5:22b.GAL.005.022 Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa;
5:23b.GAL.005.023 akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo.
5:24b.GAL.005.024 Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo.
5:25b.GAL.005.025 Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya.
5:26b.GAL.005.026 Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana.
6
6:1b.GAL.006.001 Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe.
6:2b.GAL.006.002 Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu;
6:3b.GAL.006.003 kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa.
6:4b.GAL.006.004 Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye;
6:5b.GAL.006.005 kuba elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo.
6:6b.GAL.006.006 Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo.
6:7b.GAL.006.007 Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona;
6:8b.GAL.006.008 ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.
6:9b.GAL.006.009 Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.
6:10b.GAL.006.010 Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.
6:11b.GAL.006.011 Bonani ukuba kukhulu kokubhala endinibhalele ngako ngesam isandla.
6:12b.GAL.006.012 Bonke abathanda ukuba babe nesimilo esihle ngokwangaphandle, abo ke baninyanzela ukuba naluswe; benzela nje kodwa ukuze bangatshutshiswa ngawo umnqamlezo kaKristu.
6:13b.GAL.006.013 Kuba kwanabo balukayo, bengawubambi umthetho, bathanda ukuba naluswe, ukuze baqhayise ngeyiyeyenu inyama.
6:14b.GAL.006.014 Mna ke mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.
6:15b.GAL.006.015 Kuba kwabakuKristu Yesu, akunamandla anto ukwaluka nokungaluki; into enamandla sisidalwa esitsha.
6:16b.GAL.006.016 Bonke ke abahamba ngalo mgca, makube luxolo nenceba kubo ke, nakwabangamaSirayeli kaThixo.
6:17b.GAL.006.017 Elokugqiba ndithi, Makungabikho namnye undixhamlayo; kuba mna, iimpawu zeNkosi uYesu ndiziphethe ngomzimba wam.
6:18b.GAL.006.018 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu, bazalwana. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Galatians (Xhosa). Galatians (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C403-7