Romans (Xhosa)
1
1:1b.ROM.001.001 UPawulos, umkhonzi kaYesu Kristu, umpostile owabizwayo, wahlulelwa ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zikaThixo,
1:2b.ROM.001.002 awazidingayo ngenxa engaphambili ngabo abaprofeti bakhe ezibhalweni ezingcwele,
1:3b.ROM.001.003 ebhekisele kuNyana wakhe, owazalwa engowembewu kaDavide ngokwenyama,
1:4b.ROM.001.004 owamiswayo ukuba unguNyana kaThixo, enamandla, ngokomoya wobungcwele, ngokuvuka kwabafileyo, uYesu Kristu ke, iNkosi yethu;
1:5b.ROM.001.005 esathi ngaye samkela ubabalo nobupostile, ukuze ngenxa yegama lakhe kubekho ukulululamela ukholo phakathi kwazo zonke iintlanga;
1:6b.ROM.001.006 eniphakathi kwazo nani, babiziweyo bakaYesu Kristu:
1:7b.ROM.001.007 ubhalela bonke abaseRoma, abaziintanda zikaThixo, abangcwele ababiziweyo, esithi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Kristu.
1:8b.ROM.001.008 Kuqala ke, ndiyabulela kuThixo wam ngoYesu Kristu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu luxelwa ehlabathini liphela.
1:9b.ROM.001.009 Kuba ulingqina lam uThixo, endimkhonzayo ngomoya wam kwiindaba ezilungileyo zoNyana wakhe, okokuba andiyeki ukunikhankanya;
1:10b.ROM.001.010 ndihlala ndikhunga emithandazweni yam, ukuba ndingade ngoku ndibe nempumelelo, ndize kuni nangakuphi, ngako ukuthanda kukaThixo.
1:11b.ROM.001.011 Kuba ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele sibabalo sithile sisesomoya, ukuze nizimaseke;
1:12b.ROM.001.012 oko ke kukuze ndivuseleleke nam phakathi kwenu, ngalo ukholo olukuthi sobabini, ngolwenu kwanangolwam.
1:13b.ROM.001.013 Andithandi ke ukuba ningazi, bazalwana, ukuba kufuthi ndizimisela entliziyweni yam ukuza kuni (ndathintelwa kwada kwanamhla), ukuze ndibe nasiqhamo sithile naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga.
1:14b.ROM.001.014 KumaGrike kwanakumabharbhari, kwizilumko kwanakwabaswele ukuqonda, ndimelwe kukushumayela.
1:15b.ROM.001.015 Ngokunjalo okukokwam ndingxamele ukuzishumayela iindaba ezilungileyo nakuni baseRoma.
1:16b.ROM.001.016 Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo zikaKristu; kuba zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umYuda kuqala, kwanomGrike.
1:17b.ROM.001.017 Kuba ngazo kutyhilwa ubulungisa bukaThixo, buphuma elukholweni buse elukholweni, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Olilungisa ke uya kudla ubomi ngokokholo.
1:18b.ROM.001.018 Kuba ityhilekile ingqumbo kaThixo ivela emazulwini, ichase konke ukungahloneli Thixo, nentswela-bulungisa yabantu, abayithintelayo inyaniso ngokuswela ukulungisa.
1:19b.ROM.001.019 Ngokokuba oko kwazekayo ngoThixo kuyabonakala ngaphakathi kwabo; kuba uThixo wakubonakalalisa kubo.
1:20b.ROM.001.020 Kuba kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi nakuziphendulela.
1:21b.ROM.001.021 Ngokokuba bathe, bemazi uThixo, abamzukisa ngokoThixo, ababulela kuye; basuka bazizinto ezingento ezicamangweni zabo, yaza intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa yamnyama;
1:22b.ROM.001.022 bathi besiba bazizilumko, besuka baba ziziyatha;
1:23b.ROM.001.023 baza ubuqaqawuli bukaThixo ongenakonakala babananisela intsobi yomfanekiselo womntu onokonakala, noweentaka, nowezinto ezizitho zine, nowezinambuzane.
1:24b.ROM.001.024 Kungoko athe, besezinkanukweni zeentliziyo zabo, uThixo wabanikela nokubanikela ekungcoleni, ukuba bahlazisane ngemizimba, yabo.
1:25b.ROM.001.025 bona bananisele ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali, ongowokubongwa kuse kuwo amaphakade. Amen.
1:26b.ROM.001.026 Ngenxa yoko, uThixo wabanikela ekuthabathekeni okulihlazo; kuba namankazana abo umsebenzi wasemvelweni awananisela okunxamnye nemvelo;
1:27b.ROM.001.027 kwaza kwangokunjalo ke namadoda, ewushiya umsebenzi wenkazana wasemvelweni, avutha ngokukhanukana kwawo, amadoda esenza kumadoda okuziintloni, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo.
1:28b.ROM.001.028 Njengokuba ke bekumangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo;
1:29b.ROM.001.029 bezele yiyo yonke intswela-bulungisa, okungendawo, ukubawa, ulunya; bezele ngumona, kukubulala, ziinkani, yinkohliso, bubumenemene;
1:30b.ROM.001.030 abasebezi, abahlebi, abathiyekileyo kuThixo, abasileyo, abanekratshi, abaqhankqalazi, abacebi bezinto ezimbi, abangabevayo abazali,
1:31b.ROM.001.031 abangenakuqonda, abaphuli beminqophiso, abangenabubele, abangenatarhu, abangenanceba;
1:32b.ROM.001.032 bona bathi, besazi kakuhle isimiselo sikaThixo, sokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa, banganeli kukuzenza, basuka bathakazelele nabo bazenzayo.
2
2:1b.ROM.002.001 Kungoko ndithi, Akunakuziphendulela, mntundini ugwebayo, nokuba ungubani; kuba ngokugweba omnye, uzigweba kwawena; kuba wena ugwebayo wenza kwaezo zinto.
2:2b.ROM.002.002 Siyazi ke ukuba isigwebo sikaThixo siwa ngokwenyaniso phezu kwabo bazenzayo izinto ezinjalo.
2:3b.ROM.002.003 Ucinga na ke, mntundini ugweba abo bazenzayo izinto ezinjalo, ube usenza kwazona nawe, ukuthi, uya kusisaba na wena isigwebo sikaThixo?
2:4b.ROM.002.004 Okanye uyabudela na ubutyebi bobubele bakhe, nonyamezelo, nokuzeka kade umsindo; ungazi ukuba ububele bukaThixo bukusa enguqukweni?
2:5b.ROM.002.005 Ke uthi, ngokuba lukhuni kwakho, nentliziyo yakho engenanguquko, uziqwebele ingqumbo, ngemini yengqumbo nokutyhilwa komgwebo onobulungisa kaThixo;
2:6b.ROM.002.006 oya kuvuza ulowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe:
2:7b.ROM.002.007 abo bathi ngokomonde emsebenzini olungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali, abavuze ngobomi obungunaphakade;
2:8b.ROM.002.008 ke kwabo beyelenqe, bangayithambeliyo inyaniso, basuke bathambele intswela-bulungisa, kuya kubakho umsindo nengqumbo,
2:9b.ROM.002.009 imbandezelo noxinaniso emphefumlweni wabantu bonke abasebenza okubi, kowomYuda ukuqala, kwanakowomGrike;
2:10b.ROM.002.010 kubekho uzuko ke, nembeko, noxolo, kubantu bonke abasebenza okulungileyo, kumYuda ukuqala, kwanakumGrike.
2:11b.ROM.002.011 Kuba kuThixo akukho kukhetha buso.
2:12b.ROM.002.012 Kuba bonke abonileyo bengenamthetho, baya kutshabalala ngokunjalo bengenamthetho; nabo bonke abonileyo benomthetho, baya kugwetywa ngomthetho;
2:13b.ROM.002.013 kuba asingabanela ukuba ngabaphulaphuli bawo umthetho, abangamalungisa kuThixo; ngabenzi bawo umthetho abaya kugwetyelwa.
2:14b.ROM.002.014 Kuba xa abeentlanga bathi, bengenamthetho, benze ngemvelo okomthetho, abo, bengenamthetho nje, bangumthetho kubo ngokwabo:
2:15b.ROM.002.015 bona bawubonakalalisayo umsebenzi womthetho, ubhalwe ezintliziyweni zabo, sibe isazela sabo singqinelana nawo, zibe izicamango zabo zimangalelana, ziphathe kuziphendulela.
2:16b.ROM.002.016 Kuya kuba njalo mhlenikweni uThixo aya kuzigweba izinto ezifihlakeleyo zabantu, ngokweendaba zam ezilungileyo ngoYesu Kristu.
2:17b.ROM.002.017 Uyabona, wena unegama lokuba ungumYuda, wayame ngomthetho; uqhayisa ngoThixo;
2:18b.ROM.002.018 uyakwazi ukuthanda kwakhe; uzicikida izinto ezahlukeneyo, uwutyelwe umthetho;
2:19b.ROM.002.019 kananjalo wena ukholose ngokuthi uNokeli weemfama, ulukhanyiselo lwabo basebumnyameni,
2:20b.ROM.002.020 umluleki wabaswele ukuqonda, umfundisi weentsana, onesimilo sokwazi nesenyaniso emthethweni.
2:21b.ROM.002.021 Ndithi, wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi? Wena ke uvakalisa ukuthi, makungebiwa, uyeba?
2:22b.ROM.002.022 Wena ke uthi, makungakrexezwa, uyakrexeza? Wena ke ukruqukileyo zizithixo, uphanga iitempile?
2:23b.ROM.002.023 Wena ke uqhayisa ngomthetho, uyamhlazisa uThixo ngokugqitha umthetho?
2:24b.ROM.002.024 Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kwazo iintlanga, njengoko kubhaliweyo.
2:25b.ROM.002.025 Kuba ulwaluko luyanceda okunene, ukuba uyawenza umthetho; kodwa ukuba ungumgqithi womthetho, ulwaluko lwakho lusuke lwaba kukungaluki.
2:26b.ROM.002.026 Ngoko ke, ukuba ongalukileyo uthi azigcine izimiselo zomthetho, akuyi kuthi na ukungaluki kwakhe kubalelwe ekuthini kukwaluka?
2:27b.ROM.002.027 Kuthi ukungaluki, oko kwasemvelweni, ngokuwuzalisa umthetho, kukugwebe wena ungumgqithi-mthetho, noko unesibhalo nolwaluko?
2:28b.ROM.002.028 Kuba umYuda asingulowo unguye ngokwangaphandle, nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni;
2:29b.ROM.002.029 umYuda ngulowo wasemfihlekweni, nolwaluko lolwentliziyo ngomoya, kungengantetho: yena ukudunyiswa kwakhe kungaphumi bantwini, kuphuma kuThixo.
3
3:1b.ROM.003.001 Ugqithisele ngantoni na ngoko umYuda kwabanye? Kunceda ntoni na ukwaluka?
3:2b.ROM.003.002 Kukhulu, ngeendlela zonke. Kuba ke, ukuqala, baphathiswa izihlabo zikaThixo.
3:3b.ROM.003.003 Kuyini na khona, ukuba abathile abakholwanga? Ukungakholwa kwabo kokuphuthisa na ukuthembeka kukaThixo?
3:4b.ROM.003.004 Nakanye! UThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuze ube nokugwetyelwa emazwini akho, Weyise ekumangalelweni kwakho.
3:5b.ROM.003.005 Ke ukuba ukuswela-kulungisa kwethu kuqondakalisa ubulungisa bukaThixo, sothini na? Uswele ukulungisa na uThixo, lo uhlisa umsindo wakhe? (Ndithetha ngokomntu.)
3:6b.ROM.003.006 Nakanye! Oko ubengathini na uThixo ukuligweba ihlabathi?
3:7b.ROM.003.007 Ke ukuba inyaniso kaThixo iphuphumele ekuthini azukiswe ngobuxoki bam, ndisagwetywa ngani na mna ngokomoni?
3:8b.ROM.003.008 Yini na ukuba singabi sesisithi (ngoko ke sinyeliswayo, ngoko ke abathile bathi, sithi thina), Masenze okubi, ukuze kuvele okulungileyo? abakugwetywa kuyeleleyo.
3:9b.ROM.003.009 Kuthiweni na ke? Sinomkhusane na? Hayi, unakanye! Kuba besesiwamisele ityala amaYuda kwanamaGrike, lokuba baphantsi kwesono bonke;
3:10b.ROM.003.010 njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Akukho lungisa, hayi, nalinye;
3:11b.ROM.003.011 Akukho uqondayo; Akukho umfunisisayo uThixo!
3:12b.ROM.003.012 Bonke baphambukile; bephelele, abancedi lutho; Akukho wenza okulungileyo; akukho nokude abe mnye.
3:13b.ROM.003.013 Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo, Ngeelwimi zabo bamana ukukhohlisa. Ubuhlungu bamaphimpi buphantsi kwemilebe yomlomo wabo.
3:14b.ROM.003.014 Abamlomo uzele kukuqalekisa nobukrakra.
3:15b.ROM.003.015 Iinyawo zabo zinamendu okuphalaza igazi;
3:16b.ROM.003.016 Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;
3:17b.ROM.003.017 Nendlela yoxolo abayazanga.
3:18b.ROM.003.018 Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.
3:19b.ROM.003.019 Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.
3:20b.ROM.003.020 Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.
3:21b.ROM.003.021 Ngoku ke kubonakaliswe ubulungisa bukaThixo, kungekho mthetho, bungqinelwa nguwo umthetho nabaprofeti;
3:22b.ROM.003.022 ubulungisa ke bukaThixo, obungokukholwa kuYesu Kristu, bube bobabo bonke, buphezu kwabo bonke abakholwayo;
3:23b.ROM.003.023 kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo;
3:24b.ROM.003.024 begwetyelwe ngesisa lubabalo lwakhe ngako ukukhululwa ngentlawulelo ekuYesu Kristu;
3:25b.ROM.003.025 athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo;
3:26b.ROM.003.026 ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngeli xesha lakalokunje, ukuze abe lilungisa, kwanomgwebeli walowo waselukholweni lukaYesu.
3:27b.ROM.003.027 Luphi na ngoko uqhayiso? Luvalelwe ngaphandle. Ngamthetho mni na? Ngowemisebenzi na? Hayi! Ngomthetho wokholo.
3:28b.ROM.003.028 Ngoko ke sigqiba kwelithi, umntu ugwetyelwa ngokholo, kungekho misebenzi yamthetho.
3:29b.ROM.003.029 Kanene uThixo ungowamaYuda odwa na? Akanguye na noweentlanga? Ewe, ngoweentlanga nazo;
3:30b.ROM.003.030 ekubeni emnye uThixo, oya kugwebela abolwaluko ngokwaselukholweni, nabangengabolwaluko ngalo ukholo.
3:31b.ROM.003.031 Umthetho ngoko siyawuphuthisa na ngalo ukholo? Nakanye! Siyawumisa wona umthetho.
4
4:1b.ROM.004.001 Yintoni na ngoko esiya kuthi, uAbraham, ubawo wethu, ufumene yona ngokwenyama?
4:2b.ROM.004.002 Kuba uAbraham, ukuba wayegwetyelwe ngokwasemisebenzini, ange eneqhayiya; akanalo ke phambi koThixo.
4:3b.ROM.004.003 Kuba sithini na isibhalo? Sithi ke, Wakholwa uAbraham kuThixo, kwaza oko kwabalelwa kuye ebulungiseni.
4:4b.ROM.004.004 Ke kaloku, kulowo usebenzayo, umvuzo awubalelwa ngokwaselubabalweni; ubalelwa ngokwasekubangweni.
4:5b.ROM.004.005 Ke kulowo ungasebenziyo, uthi akholwe kuye omgwebelayo lowo ungahloneli Thixo, ukholo lwakhe lubalelwa ebulungiseni;
4:6b.ROM.004.006 kwanjengokuba noDavide eluncoma uyolo lwaloo mntu, uThixo ambalela ubulungisa kungekho misebenzi,
4:7b.ROM.004.007 esithi, Banoyolo abazigqitho zixolelweyo, Abazono zigutyungelweyo;
4:8b.ROM.004.008 Inoyolo indoda eya kuthi iNkosi ingakhe ibalele sono kuyo.
4:9b.ROM.004.009 Olo luyolo ngoko lunconywayo lulolwabolwaluko bodwa na? Asilulo olwabo bangebolwaluko nabo na? Kuba sithi, kuAbraham ukholo lwabalelwa ebulungiseni.
4:10b.ROM.004.010 Lwathiwani na ke ngoko ukubalelwa kuye? Esekwalukeni, esekungalukini, sini na? Engekhona ekwalukeni; esekungalukini.
4:11b.ROM.004.011 Waza wamkela umqondiso wolwaluko, waba litywina lokuqinisa ubulungisa bokholo abenalo esekungalukini: ukuba abe nguyise wabo bonke abakholwayo besekungalukini, ukuze ubulungisa bubalelwe nakubo;
4:12b.ROM.004.012 nokuthi abe nguyise wabalukileyo, abanganele ukuba ngabalukileyo nje kodwa; abathi phezu koko bahambe emkhondweni wokholo lobawo wethu uAbraham, abenalo esekungalukini.
4:13b.ROM.004.013 Kuba ukumbeka ngedinga uAbraham, nokuba yimbewu yakhe, lokuba yindlalifa yalo ihlabathi, bekungengamthetho; bekungobulungisa bokholo.
4:14b.ROM.004.014 Kuba abo basemthethweni, ukuba ngabo iindlalifa, ukholo lungaba lwenziwe into engento, nedinga lingaba liphuthisiwe;
4:15b.ROM.004.015 kuba umthetho usebenza ingqumbo. Ke apho kungekho mthetho, akukho sigqitho.
4:16b.ROM.004.016 Ngenxa yoku, ilifa lelaselukholweni; ukuze libe ngokobabalo; ukuze idinga liqiniseke kuyo yonke imbewu; lingabi kweyasemthethweni yodwa, libe nakweyaselukholweni luka-Abraham, ongubawo wethu sonke
4:17b.ROM.004.017 (njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndikumisile ukuba ube nguyise weentlanga ezininzi), phambi koThixo awakholwayo kuye, obadlisa ubomi abafileyo, azibize izinto ezingekhoyo, zinge zikho.
4:18b.ROM.004.018 Owakholwayo ngethemba, kungekho nethemba eli, ukuze abe nguyise weentlanga ezininzi, ngokoko kwathethwayo: Iya kuba njalo imbewu yakho.
4:19b.ROM.004.019 Wathi, engebuthathaka nje ngokholo, akondela emzimbeni wakhe, obuselufile (emayela ekhulwini leminyaka ezelwe), kwanokufa kwesizalo sikaSara;
4:20b.ROM.004.020 owathi, ngokusingisele kwidinga likaThixo, akathandabuza ngokungakholwa; wesuka womelela ngokholo, ezukisa uThixo,
4:21b.ROM.004.021 eqinisekile ukuba oko akumise ngedinga, unako nokukwenza.
4:22b.ROM.004.022 Kungoko kwabalelwa nokubalelwa ebulungiseni kuye.
4:23b.ROM.004.023 Ke kaloku, ukuba kwabalelwa kuye, akubhalwanga ngenxa yakhe yedwa;
4:24b.ROM.004.024 kwabhalwa nangenxa yethu, thina kwakuza kubalelwa kuthi, thina bakholwayo kulowo wamvusayo uYesu iNkosi yethu kwabafileyo;
4:25b.ROM.004.025 owanikelwa ngenxa yeziphoso zethu, waza wabuya wavuswa ngenxa yokugwetyelwa kwethu.
5
5:1b.ROM.005.001 Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;
5:2b.ROM.005.002 esaba nako ngaye ukuthi singene ngokholo kolu lubabalo simiyo kulo, siqhayise ngokuthemba uzuko lukaThixo.
5:3b.ROM.005.003 Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo;
5:4b.ROM.005.004 unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; ukucikideka ke kusebenza ithemba;
5:5b.ROM.005.005 ithemba ke alidanisi, ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo.
5:6b.ROM.005.006 Kuba uKristu uthe, sakubon ukuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo.
5:7b.ROM.005.007 Kuba kungangenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo;
5:8b.ROM.005.008 ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon ukuba sisengaboni, uKristu asifele.
5:9b.ROM.005.009 Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo.
5:10b.ROM.005.010 Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, sixolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe.
5:11b.ROM.005.011 Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje uxolelaniso olo.
5:12b.ROM.005.012 Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo;
5:13b.ROM.005.013 kuba kude kwakho umthetho, kukho isono ehlabathini, sibe ke isono singabalelwa mntwini kungekho mthetho.
5:14b.ROM.005.014 Ukufa ke kwalawula, kuthabathela kuAdam kwezisa kuMoses, nakwabo bangonanga ngokufana nesigqitho sika-Adam, oyintsobi yalowo ubeza kubakho.
5:15b.ROM.005.015 Sisuke isiphoso asaba njengoko sinjalo sona isibabalo. Kuba, xa abaninzi aba bafa sisiphoso salowo mnye, kokukhona ubabalo lukaThixo, nesipho esingobabalo olu lwalo mntu mnye, uYesu Kristu, saphuphumela kubo abaninzi aba.
5:16b.ROM.005.016 Kanjalo sona isipho asinjengokuba kwaba njalo ngalowo mnye wonayo. Kuba okunene isigwebo seza ngenxa yalowo mnye, sesa ekugwetyweni; ke sona isibabalo seza ngenxa yeziphoso ezininzi, sesa ekugwetyelweni.
5:17b.ROM.005.017 Kuba, xa kwathi ngesiphoso salowo mnye ukufa kwalawula ngalowo mnye, kokukhona baya kuthi aba bakwamkelayo ukuphuphuma kobabalo, noko kuphiwa ubulungisa, babe nokulawula ebomini ngaye lo umnye, uYesu Kristu.
5:18b.ROM.005.018 Ngoko ke, njengokuba kwathi ngasiphoso sinye kwabakho ukugwetywa kwabo bonke abantu, ngokunjalo kothi nangesenzo esinye sobulungisa, kubekho ukugwetyelwa ubomi kubo bonke abantu.
5:19b.ROM.005.019 Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva komntu omnye lowo, abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kuya kuthi, nangokuva komnye lo, abaninzi benziwe amalungisa.
5:20b.ROM.005.020 Ke kaloku umthetho wangena nawo, ukuze isiphoso sande; ke apho sandayo isono, lwaphuphuma ngakumbi ubabalo;
5:21b.ROM.005.021 ukuze, njengokuba isono saba nokulawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lube nokulawula ngobulungisa, luse ebomini obungunaphakade, ngaye uYesu Kristu, iNkosi yethu.
6
6:1b.ROM.006.001 Masithini na ngoko? Masihlale sihleli na esonweni, ukuze ubabalo lwande?
6:2b.ROM.006.002 Nakanye! Thina safayo nje kwisono, singathini na ukuba sahlala kuso?
6:3b.ROM.006.003 Anazi na ukuba thina sonke, sabhaptizelwayo kuKristu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?
6:4b.ROM.006.004 Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze, njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha.
6:5b.ROM.006.005 Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe;
6:6b.ROM.006.006 sikwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono;
6:7b.ROM.006.007 kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono.
6:8b.ROM.006.008 Ukuba ke safa kunye noKristu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye;
6:9b.ROM.006.009 sisazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusamphathi ngabukhosi.
6:10b.ROM.006.010 Kuba ukufa awakufayo, wakufa kwisono kwaba kanye; ubomi ke abudlayo, ubudlela kuThixo.
6:11b.ROM.006.011 Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu.
6:12b.ROM.006.012 Ngoko isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, ukuze nisilulamele ngokwenza iinkanuko zawo.
6:13b.ROM.006.013 Kanjalo amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswela-bulungisa; manizinikele ngokwenu kuThixo, ngokwabaphile babengabafileyo, niwanikele kuThixo amalungu enu, ukuba abe ziintonga zobulungisa.
6:14b.ROM.006.014 Kuba isono asiyi kuniphatha ngabukhosi; kuba aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo.
6:15b.ROM.006.015 Kuthiweni na ngoko? Sone na, kuba singephantsi kwamthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!
6:16b.ROM.006.016 Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye ukuba ngabakhonzi bokumlulamela, ningabakhonzi ngoku kulowo nimlulamelayo: nokokuba ningabesono, nisingise ekufeni, nokokuba ningabolulamo, nisingise ebulungiseni?
6:17b.ROM.006.017 Makubulelwe ke kuThixo, ukuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo;
6:18b.ROM.006.018 nathi, nakuba nikhululwe ke kuso isono, nakhonziswa kubo ubulungisa.
6:19b.ROM.006.019 Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba, njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho: ngokunjalo kalokunje, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke.
6:20b.ROM.006.020 Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa.
6:21b.ROM.006.021 Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sazo kukufa.
6:22b.ROM.006.022 Kaloku ke, nikhululwe nje kuso isono, naza nakhonziswa kuThixo, ninaso isiqhamo senu sokuba ningcwaliseke; isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade.
6:23b.ROM.006.023 Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.
7
7:1b.ROM.007.001 Anazi na, bazalwana (kuba ndithetha kwabawaziyo umthetho), ukuba umthetho umphatha ngobukhosi umntu ngexesha lonke adla ubomi ngalo?
7:2b.ROM.007.002 Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho kwindoda yakhe, lo gama idla ubomi; ukuba ke ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophe endodeni.
7:3b.ROM.007.003 Ngoko ke, ukuba uthe waba kuyimbi indoda, yakubon ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi. Ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile kuwo umthetho, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda.
7:4b.ROM.007.004 Ngoko ke, bazalwana bam, nani nabulawa nafa kuwo umthetho ngawo umzimba kaKristu, ukuba nibe kuwumbi, kulowo ke wavuswa kwabafileyo, ukuze sixakathe isiqhamo kuThixo thina.
7:5b.ROM.007.005 Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, okube kuxhokonxwa ngawo umthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ekuxakatha isiqhamo esisa ekufeni.
7:6b.ROM.007.006 Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho, safayo nje kwesasibanjwe kuko, ngokokude sikhonze sinobutsha bomoya, singakhonzi sinobudala bomthetho obhaliweyo.
7:7b.ROM.007.007 Sithini na ke? Umthetho usisono na? Nakanye! Ke ngendingasazanga isono, ukuba bekungengamthetho; kuba nenkanuko ngendingayazanga, ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi, Uze ungakhanuki.
7:8b.ROM.007.008 Isono ke sizuze ithuba ngawo umthetho, sasebenza ngaphakathi kwam yonke inkanuko; kuba, kungekho mthetho, isono sifile.
7:9b.ROM.007.009 Mna ke bendifudula ndiphilile, ungekho umthetho; uthe ke wakufika umthetho, sabuya saphila isono, ndafa ke mna;
7:10b.ROM.007.010 waza umthetho obumiselwe ubomi, wafumaneka kum inguwona usingisa ekufeni.
7:11b.ROM.007.011 Kuba isono sithe, sizuze ithuba ngawo umthetho, sandilukuhla, saza ngawo sandibulala.
7:12b.ROM.007.012 Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.
7:13b.ROM.007.013 Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Nakanye! Saye sisisono; ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngoko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo.
7:14b.ROM.007.014 Kuba siyazi ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono.
7:15b.ROM.007.015 Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza;
7:16b.ROM.007.016 ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle.
7:17b.ROM.007.017 Ngoko ke ayisendim osebenza oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.
7:18b.ROM.007.018 Kuba ndiyazi ukuba ngaphakathi kwam, oko kukuthi enyameni yam, akumi okulungileyo; kuba ukuthanda kukho ukubakho oku kum; ke kona ukukusebenza okuhle andikufumani.
7:19b.ROM.007.019 Kuba okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza.
7:20b.ROM.007.020 Ukuba ke endingakuthandiyo mna, ndenza khona oko, ayisendim okusebenzayo
7:21b.ROM.007.021 oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.
7:22b.ROM.007.022 Ndifumana ngoko lo mthetho kum, ukuba kuthi, ndifuna ukukwenza okuhle, kusuke kubekho okubi kum.
7:23b.ROM.007.023 Kuba ndikholene nomthetho kaThixo ngokomntu ongaphakathi; kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am.
7:24b.ROM.007.024 Athi ke mna, mntu uludwayi! Azi, ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba woku kufa?
7:25b.ROM.007.025 Ndiyabulela kuThixo ngoYesu Kristu, iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo; kodwa ngayo inyama ndikhonza umthetho wesono.
8
8:1b.ROM.008.001 Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya.
8:2b.ROM.008.002 Kuba umthetho woMoya wobomi, ndakuba kuKristu Yesu, wandikhulula emthethweni wesono nokufa.
8:3b.ROM.008.003 Kuba ekukhohlweni komthetho, ekubeni uswele amandla ngayo inyama, uthe uThixo, ethume owakhe uNyana, efana nenyama elawulwa sisono, emthume ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni leyo;
8:4b.ROM.008.004 ukuze ibango lomthetho lizaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama; sihambayo ngokoMoya.
8:5b.ROM.008.005 Kuba abo bangokwenyama banyamekela izinto zasenyameni; abo ke bangokoMoya banyamekela izinto zaseMoyeni.
8:6b.ROM.008.006 Kuba ukunyameka kwenyama ikukufa; ukunyameka ke koMoya bubomi noxolo.
8:7b.ROM.008.007 Ngokokuba ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo; kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo.
8:8b.ROM.008.008 Abo ke bakwinyama, abanakumkholisa uThixo.
8:9b.ROM.008.009 Ke nina anikwinyama; nikuMoya, ukuba kumi okunene uMoya kaThixo ngaphakathi kwenu. Ukuba ke umntu akanaye uMoya kaKristu, akangowakhe lowo.
8:10b.ROM.008.010 Ukuba ke uKristu ungaphakathi kwenu, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa uMoya ububomi ngenxa yobulungisa.
8:11b.ROM.008.011 Ukuba ke uMoya walowo wamvusayo uYesu kwabafileyo, umi ngaphakathi kwenu, yena owamvusayo uKristu kwabafileyo uya kuyenza iphile nemizimba yenu enokufa, ngaye uMoya wakhe omiyo ngaphakathi kwenu.
8:12b.ROM.008.012 Ngoko ke, bazalwana, singabanetyala; kodwa kungekuyo inyama ukuze siphile ngokwenyama.
8:13b.ROM.008.013 Kuba xa niphila ngokwenyama, niza kufa; ke ukuba niyazibulala ngoMoya, zife iintlondi zomzimba, nophila.
8:14b.ROM.008.014 Kuba bonke abakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo abo.
8:15b.ROM.008.015 Kuba anamkelanga moya wabukhoboka, ukuba nibuye noyike; namkele umoya wokwenziwa oonyana, esidanduluka ngawo sithi, Abha, Bawo.
8:16b.ROM.008.016 UMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo.
8:17b.ROM.008.017 Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye.
8:18b.ROM.008.018 Kuba ndigqiba kwelithi, iintlungu zeli xesha lakalokunje azinakulinganiswa nobuqaqawuli obu buza kutyhilwa kuthi.
8:19b.ROM.008.019 Kuba ukulangazelela kwendalo kulinde ukutyhileka koonyana bakaThixo.
8:20b.ROM.008.020 Kuba indalo yalulanyiselwa kokungelutho, kungengakuvuma kwayo, kungenxa yowayilulamisayo,
8:21b.ROM.008.021 inethemba lokuba nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.
8:22b.ROM.008.022 Kuba siyazi ukuba yonke indalo iyancwina, inenimba kunye, unangoku.
8:23b.ROM.008.023 Asiyiyo ke yodwa; sisuka nathi, banayo intlahlela yoMoya, thina aba ke ngokwethu, sincwine ngaphakathi kwethu, silinde ukwenziwa oonyana; inkululeko yomzimba wethu ke leyo.
8:24b.ROM.008.024 Kuba sasindiselwa ethembeni; ke ithemba elise libonwa asithemba; kuba oko akubonayo umntu, angaba usakuthembeleni na?
8:25b.ROM.008.025 Ukuba ke sithembe ukuzuza oko singakuboniyo, sikulinda kakhulu, sinomonde.
8:26b.ROM.008.026 Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla; kuba esingakuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo.
8:27b.ROM.008.027 Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo.
8:28b.ROM.008.028 Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe.
8:29b.ROM.008.029 Ngokuba abo wabaziyo ngenxa engaphambili, wabamisela ngenxa engaphambili ukuba bafane nomfanekiselo woNyana wakhe, ukuze abe ngowamazibulo kubazalwana abaninzi.
8:30b.ROM.008.030 Abo ke wabamisayo ngenxa engaphambili, wabuya wababiza bona; waza abo wababizayo, wabuya wabagwebela bona; abo ke wabagwebelayo, wabuya wabazukisa nokubazukisa bona.
8:31b.ROM.008.031 Sithini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo?
8:32b.ROM.008.032 Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye?
8:33b.ROM.008.033 Ngubani na oya kumangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo?
8:34b.ROM.008.034 Ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo?
8:35b.ROM.008.035 Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na?
8:36b.ROM.008.036 Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yakho sibulawa imini yonke; Sibalelwe ekuthini sizizimvu zokuxhelwa.
8:37b.ROM.008.037 Kanti ke kwezo zinto zonke, sisuka soyise sigqithisele, ngaye owasithandayo.
8:38b.ROM.008.038 Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo,
8:39b.ROM.008.039 nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.
9
9:1b.ROM.009.001 Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sibe nesazela sam sindingqinela ndiseMoyeni oyiNgcwele,
9:2b.ROM.009.002 ukuba ndineentlungu kakhulu, nentuthumbo enkulu engapheliyo, entliziyweni yam.
9:3b.ROM.009.003 Kuba bendingade ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndahlukaniswe naye uKristu, ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama,
9:4b.ROM.009.004 abangamaSirayeli bona; ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqoqhiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga;
9:5b.ROM.009.005 abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen.
9:6b.ROM.009.006 Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli;
9:7b.ROM.009.007 kananjalo abathe, ngakuba beyimbewu ka-Abraham, baba ngabantwana bonke; kusuke kwathiwa, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake;
9:8b.ROM.009.008 oko kukuthi, asingabantwana benyama abangabantwana bakaThixo; ngabantwana bedinga ababalelwa ekuthini bayimbewu.
9:9b.ROM.009.009 Kuba lilo eli ilizwi ledinga, Ngeli xesha nyakenye ndiya kuza, waye uSara eya kuba nonyana.
9:10b.ROM.009.010 Alipheli apho ke; kwathi nakuRebheka, akubon ukuba ukhawule ngamnye, ngoIsake ubawo wethu,
9:11b.ROM.009.011 nakuba abantwana babengekazalwa, bengekenzi nto nelungileyo nembi, ukuze ingqibo kaThixo ngokonyulo ihlale ihleli, ingengokwasemisebenzini, ingokwalowo ubizayo:
9:12b.ROM.009.012 kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci;
9:13b.ROM.009.013 njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya.
9:14b.ROM.009.014 Sithini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo? Nakanye!
9:15b.ROM.009.015 Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye.
9:16b.ROM.009.016 Ngoko ke asikokothandayo, kanjalo asikokobalekayo; kokukaThixo onenceba.
9:17b.ROM.009.017 Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakuvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi.
9:18b.ROM.009.018 Ngoko ke unenceba kwathanda ukumenzela inceba, athi ke athandayo amenze lukhuni.
9:19b.ROM.009.019 Uya kuthi kum ngoko, Usasolelani na ke? Kuba ngubani na omelana necebo lakhe?
9:20b.ROM.009.020 Ehla ke, mntundini! Ungubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingatsho na kumxonxi Wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza?
9:21b.ROM.009.021 Khona akanagunya na umbumbi wodongwe ukwenza, ngadongwe lwambumba-nye, esinye isitya sibe sesembeko, nesinye sibe sesingesambeko?
9:22b.ROM.009.022 Hi, ukuba ke uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselwe intshabalalo;
9:23b.ROM.009.023 ukuze abazise ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba, abezilungisele uzuko ngenxa engaphambili;
9:24b.ROM.009.024 ezi wazibizayo, kwathina aba, kungekuwo amaYuda odwa, kukwiintlanga nazo?
9:25b.ROM.009.025 Njengokuba esithi nakwekaHoseya, Ndiya kubabiza abangebantu bam ngokuba ngabantu bam; Nongathandiweyo, ngokuba ngothandiweyo.
9:26b.ROM.009.026 Kwakuya kuthi, apho kwabe kusithiwa kubo, Aningabantu bam nina, Babizwe apho ngokuthi, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.
9:27b.ROM.009.027 Ke uIsaya udanduluka ngoSirayeli, esithi, Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, ngamasalela odwa aya kusindiswa;
9:28b.ROM.009.028 kuba elifeza ilizwi, aligqibe ngobulungisa; ngokuba iNkosi iya kwenza ilizwi layo phezu komhlaba, ilifinyeze.
9:29b.ROM.009.029 Kwanjengokuba uIsaya ebetshilo ngenxa engaphambili ukuthi, Ukuba iNkosi yemikhosi ibingasishiyelanga mbewu, Ngesibe saba njengeSodom, ngesibe senziwa safana neGomora.
9:30b.ROM.009.030 Sithini na ke ngoko? Sithi, iintlanga ebezingasukeli bulungisa, zabubamba ubulungisa, ubulungisa ke baselukholweni;
9:31b.ROM.009.031 kodwa yena uSirayeli, obesukela umthetho wobulungisa, akafikelelanga emthethweni wobulungisa.
9:32b.ROM.009.032 Ngani na? Ngokuba ukusukela kwakhe kwaye kungengokwaselukholweni; kwaye kungathi kungokwasemisebenzini yomthetho. Kuba babetheka elityeni eli lokubetheka,
9:33b.ROM.009.033 njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lokubetheka, Iliwa lesikhubekiso; bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.
10
10:1b.ROM.010.001 Bazalwana, inkolelo yeyam intliziyo, nesikhungo sam kuye uThixo, ngenxa yamaSirayeli, sesokuba asindiswe.
10:2b.ROM.010.002 Kuba ndiyabangqinela ukuba banokumzondelela uThixo, koko bengamzondeleli ngokokwazi okukuko.
10:3b.ROM.010.003 Kuba bathe, bengabazi ubulungisa bukaThixo, befuna nokumisa obabo ubulungisa, ababululamela ubulungisa bukaThixo.
10:4b.ROM.010.004 Kuba intsingiselo yomthetho nguKristu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo.
10:5b.ROM.010.005 Kuba uMoses ubulungisa basemthethweni uthi ukububhala, Umntu ozenzileyo ezi zinto uya kuphila zizo.
10:6b.ROM.010.006 Ke bona obaselukholweni ubulungisa buthetha ngolu hlobo, Musa ukuthi entliziyweni yakho, Ngubani na oya kunyuka aye emazulwini ukuba ahlise uKristu?
10:7b.ROM.010.007 nokuthi, Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni, ukuba anyuse uKristu kwabafileyo?
10:8b.ROM.010.008 Buthini na ke? Buthi, Ilizwi eli likufuphi kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho: elo ke lilizwi lokholo, eli sivakalisa lona.
10:9b.ROM.010.009 Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.
10:10b.ROM.010.010 Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; avume ke ngomlomo, ukuze asindiswe.
10:11b.ROM.010.011 Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.
10:12b.ROM.010.012 Kuba akukho kwahluka kwamYuda namGrike; kuba ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo.
10:13b.ROM.010.013 Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.
10:14b.ROM.010.014 Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga?
10:15b.ROM.010.015 Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli? Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!
10:16b.ROM.010.016 Abazilulamelanga ke bonke iindaba ezilungileyo, kuba uIsaya uthi, Nkosi, ngubani na owakholwayo ludaba lwethu?
10:17b.ROM.010.017 Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.
10:18b.ROM.010.018 Ingaba kodwa, abevanga na? Ehla wena! Intlokoma yabo yaphuma, yaya kulo lonke ihlabathi, Namazwi abo aya eziphelweni zelimiweyo.
10:19b.ROM.010.019 Ndithi, Kodwa ubengazi na uSirayeli? Ukuqala, uMoses uthi, Mna ndiya kunikhweletisa ngabangeluhlanga, Ndiya kunicaphukisa ngohlanga olungenangqondo.
10:20b.ROM.010.020 Ke yena uIsaya akanqwanqwi; uthi, Ndifunyenwe ngababengandifuni, Ndaba nokubonakala kwababengandibuzi.
10:21b.ROM.010.021 Ke ngokubhekisele kuSirayeli uthi, Imini yonke izandla zam ndizolulele kubantu abangevayo, abaphikayo.
11
11:1b.ROM.011.001 Ngoko ke ndithi, UThixo ubagibile na abantu bakhe? Nakanye! Kuba nam lo ndingumSirayeli wasembewini ka-Abraham, wesizwe sikaBhenjamin.
11:2b.ROM.011.002 UThixo akabagibanga bona abantu bakhe, abebazi ngenxa engaphambili. Okanye aniyazi na indawo ethetha ngoEliya esibhalweni, ukumangalela kwakhe amaSirayeli kuThixo, esithi,
11:3b.ROM.011.003 Nkosi, abaprofeti bakho ababulele, nezibingelelo zakho azichithile; mna ndisele ndedwa; afuna ke ubomi bam?
11:4b.ROM.011.004 Sisuka esikaThixo isihlabo sithini na kuye? Sithi, Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, angagobanga dolo kuBhahali wona.
11:5b.ROM.011.005 Ngokunjalo ke ngoko, nakweli xesha lakalokunje, kukho amasalela ngokonyulo lobabalo.
11:6b.ROM.011.006 Ukuba ke kungobabalo, akusengamisebenzi; okanye ubabalo alungebi saba lubabalo.
11:7b.ROM.011.007 Kuthiweni na ngoko? Kuthiwe, Khona oko akungxameleyo amaSirayeli akakufumananga; ke abanyuliweyo bakufumana, bathi ke abanye baqaqadekiswa;
11:8b.ROM.011.008 njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UThixo ubanike umoya wokuqoba, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwaba yimini yanamhla.
11:9b.ROM.011.009 Kanjalo uDavide uthi, Isithebe sabo masibe sisibatha, nesihogo sokubambisa, Nesikhubekiso, nesiphindezelo kubo:
11:10b.ROM.011.010 Makenziwe abe mnyama amehlo abo, ukuba bangaboni; Nomhlana wabo wugobe amaxa onke.
11:11b.ROM.011.011 Ndithi ngoko, Bakhubeka ukuze bawe na? Nakanye! Kuthe ngesiphoso sabo, usindiso lwafika kuzo iintlanga, ukuze zibakhweletise.
11:12b.ROM.011.012 Ukuba ke isiphoso sabo siba bubutyebi behlabathi, nokuncipha kwabo kuba bubutyebi beentlanga, yobeka phi na inzaliseko yabo?
11:13b.ROM.011.013 Kuba ndithetha kuni, zintlanga. Ekubeni okunene mna ndingumpostile weentlanga, ndiyaluzukisa ulungiselelo lwam;
11:14b.ROM.011.014 ukuba ndingade ndibakhweletise abenyama yam, ndisindise inxenye yabo.
11:15b.ROM.011.015 Kuba xa ukulahlwa kwabo kuluxolelaniso lwehlabathi, koba yintoni na ukwamkelwa kwabo? Akububomi obuphuma kwabafileyo, yini na?
11:16b.ROM.011.016 Ukuba ke intlahlela ingcwele, ikwanjalo nentlama; ukuba ke ingcambu ingcwele, akwanjalo namasebe.
11:17b.ROM.011.017 Ke ukuba inxenye yamasebe yaxhuzulwa, wathi ke wena, ungumnquma wasendle nje, wamiliselwa phakathi kwawo, waba lidlelane nengcambu nokutyeba komnquma:
11:18b.ROM.011.018 musa ukuwaqhayisela amasebe; ke ukuba uyawaqhayisela, yazi ukuba asinguwe oyithweleyo ingcambu; yingcambu ethwele wena.
11:19b.ROM.011.019 Uya kuthi ngoko, Axhuzulwa amasebe, ukuze mna ndimiliselwe.
11:20b.ROM.011.020 Utyaphile; axhuzulwa ngokungakholwa, ke wena umi ngokholo; musa ukukratsha, yoyika.
11:21b.ROM.011.021 Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo.
11:22b.ROM.011.022 Khawububone ke ububele nobukhali bukaThixo; ubukhali okunene kwabo bawayo; kodwa kuwe, ububele, ukuba uthe wahlala kobo bubele; okanye wogawulwa nawe lo.
11:23b.ROM.011.023 Nabo ke, ukuba abathanga bahlale ekungakholweni, bomiliselwa; kuba uThixo unako ukubuya abamilisele.
11:24b.ROM.011.024 Kuba wena, xa wagawulwa kumnquma ongowasendle ngokwemvelo, waza wamiliselwa ngokunxamnye nemvelo komhle umnquma: bobeka phi na aba bangamasebe ngokwemvelo, ukumiliselwa kwabo kowabo umnquma?
11:25b.ROM.011.025 Kuba andithandi, bazalwana, ukuba ningayazi le mfihlelo, ukuze ningabi ziingqondi ngokwenu: le yokuba ukuqaqadeka kuwahlele amaSirayeli ngenxenye, ide ingene inzaliseko yazo iintlanga;
11:26b.ROM.011.026 aze ngokunjalo ke wonke uSirayeli asindiswe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuvela eZiyon uMhlanguli, Akusonge kumke kwaYakobi ukungahloneli Thixo.
11:27b.ROM.011.027 Nguwo ke lo umnqophiso wam nabo, Xa ndithe ndazisusa izono zabo.
11:28b.ROM.011.028 Okunene ngokweendaba ezilungileyo, baziintshaba ngenxa yenu; kodwa ngokonyulo, ngabaziintanda ngenxa yoobawo.
11:29b.ROM.011.029 Kuba azinabuyambo izibabalo ezi, nobizo olu lukaThixo.
11:30b.ROM.011.030 Kuba, njengokuba nani benifudula ningamvi uThixo, ngoku ke nenzelwe inceba kukungeva kwabo abo;
11:31b.ROM.011.031 kwangokunjalo, nabo ababanga namvo ngoku, ukuze ngokwenzelwa kwenu inceba, benzelwe nabo inceba.
11:32b.ROM.011.032 Kuba uThixo ubavalele ndawonye entsweleni-kuva bonke, ukuze abenzele inceba bonke.
11:33b.ROM.011.033 Hayi, ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazi kukaThixo! Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeki iindlela zakhe!
11:34b.ROM.011.034 Kuba ngubani na oyazileyo ingqiqo yeNkosi? Ngubani na khona othe waba ngumcebisi wayo?
11:35b.ROM.011.035 Ngubani na khona owayinikayo ngenxa engaphambili, kwaza kwabuyekezwa kuye?
11:36b.ROM.011.036 Ngokuba ziphuma kuyo ke, zikho ngayo, zikholo yona, zonke ezo zinto. Malube kuyo uzuko, kude kube ngunaphakade. Amen.
12
12:1b.ROM.012.001 Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni.
12:2b.ROM.012.002 Kanjalo ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu, ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.
12:3b.ROM.012.003 Kuba ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo nalowo umlinganiso wokholo.
12:4b.ROM.012.004 Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye kuKristu, sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.
12:5b.ROM.012.005 Sinezibabalo nje ke ezahlukahlukileyo, ngokobabalo esababalwa ngalo,
12:6b.ROM.012.006 nokuba sinokuprofeta, masiprofete ngokomlinganiselo wokholo;
12:7b.ROM.012.007 nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo;
12:8b.ROM.012.008 nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabayo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile.
12:9b.ROM.012.009 Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.
12:10b.ROM.012.010 Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani;
12:11b.ROM.012.011 mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani;
12:12b.ROM.012.012 mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani;
12:13b.ROM.012.013 mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni.
12:14b.ROM.012.014 Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.
12:15b.ROM.012.015 Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
12:16b.ROM.012.016 Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu.
12:17b.ROM.012.017 Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okuhle emehlweni abantu bonke.
12:18b.ROM.012.018 Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.
12:19b.ROM.012.019 Musani ukuziphindezelela, zintanda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.
12:20b.ROM.012.020 Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.
12:21b.ROM.012.021 Musa ukweyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.
13
13:1b.ROM.013.001 Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya lingelilo elivela kuThixo; amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo.
13:2b.ROM.013.002 Ngoko ke olichasayo igunya, umelene nommiselo kaThixo; abo ke bameleneyo nawo, baya kuziguqulela ukugwetywa.
13:3b.ROM.013.003 Kuba abaphathi aba asingabokoyikwa kwimisebenzi elungileyo, ngabokoyikwa kwemibi. Unga akungeloyiki na ke igunya? Yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo;
13:4b.ROM.013.004 kuba lingumlungiseleli kaThixo, wokuba kulungele wena. Ke, ukuba usuka wenze okubi, yoyika; kuba alifumane laliphatha ikrele, kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli ngengqumbo kowenza okubi.
13:5b.ROM.013.005 Kungoko ndithi, kufuneka ukulilulamela, ningakwenzi oko ngenxa yengqumbo yodwa, nikwenze nangenxa yesazela.
13:6b.ROM.013.006 Kuba kukwangenxa yoko eninikela irhafu; kuba ngababusi bakaThixo, bezingisa ukusebenza loo nto.
13:7b.ROM.013.007 Ngoko bonke banikeni okubafaneleyo; mnikeni irhafu ofanelwe yirhafu, unikelo ofanelwe lunikelo, ukoyika ofanelwe kukoyikwa, imbeko ofanelwe yimbeko.
13:8b.ROM.013.008 Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana; kuba omthandayo omnye uzalise umthetho.
13:9b.ROM.013.009 Kuba oku kuthi, Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze ungakhanuki, nokuba kukho wumbi umthetho, uhlanganiselwe kweli lizwi lokuthi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
13:10b.ROM.013.010 Uthando alusebenzi bubi kuye ummelwane; ngoko uthando luyinzaliseko yomthetho.
13:11b.ROM.013.011 Ke oko masikwenze, silazi nje ixesha eli, ukuba lilixa lokuba ngoku sivuke ebuthongweni; kuba ngoku usindiso lukufuphi kuthi, kunokuya saqalayo ukukholwa.
13:12b.ROM.013.012 Ubusuku buhambile, ukusa ke kusondele. Masiyilahle ngoko imisebenzi yobumnyama, sixhobe iintonga zokukhanya.
13:13b.ROM.013.013 Masihambe sizibekile ngokwasemini; kungabi sezindywaleni nasekunxileni; kungabi sekuphimiseni naseburheletyweni; kungabi sezinkanini nasemoneni.
13:14b.ROM.013.014 Yambathani ke iNkosi uYesu Kristu; ize ukwazalelela inyama ningakwenzeli ukukhwezelela iinkanuko zayo.
14
14:1b.ROM.014.001 Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa ke kungabi ngokucalula zicamango.
14:2b.ROM.014.002 Omnye okunene uyakholwa ukuba angazidla izinto zonke; kodwa yena oswele amandla udla imifuno yodwa.
14:3b.ROM.014.003 Lowo udlayo, makangamenzi into engeyakonto ongadliyo; nalowo ungadliyo, makangamgwebi odlayo; kuba uThixo umamkele.
14:4b.ROM.014.004 Ungubani na wena ugweba isicaka somnye? Ukuma kwaso, nokuba kukuwa kwaso, kusenkosini yaso. Siya kuma ke; kuba uThixo unako ukusimisa.
14:5b.ROM.014.005 Omnye okunene ubeka umhla othile kunomnye umhla, wumbi ke ubeka imihla yonke. Elowo nalowo makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.
14:6b.ROM.014.006 Lowo uwunyamekelayo umhla, uwunyamekelela iNkosi; nalowo ungawunyamekeliyo umhla, engawunyamekeli nje, wenzela iNkosi; lowo udlayo, udlela iNkosi, kuba ebulela kuThixo; nalowo ungadliyo, engadli nje, wenzela iNkosi, abe ebulela kuThixo.
14:7b.ROM.014.007 Kuba akukho namnye kuthi uzidlelayo ubomi, akukho namnye uzifelayo.
14:8b.ROM.014.008 Kuba nokuba sithi sidle ubomi, sibudlela iNkosi; nokuba sithi sife, sifela iNkosi. Ngoko ke, nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi.
14:9b.ROM.014.009 Kuba uKristu wafa, wabuya wavuka, wabuya wadla ubomi, ngenxa yoku, ukuze aphathe ubukhosi kwabafileyo, kwanakwabaphilileyo.
14:10b.ROM.014.010 Ke wena, yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Hi wena, yini na ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho? Kuba thina siya kuma sonke phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu.
14:11b.ROM.014.011 Kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndihleli nje mna, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo, Zidumise uThixo zonke iilwimi.
14:12b.ROM.014.012 Ngoko ke elowo kuthi uya kuziphendulela kuThixo.
14:13b.ROM.014.013 Masingabi sagwebana ngoko; kanye yithini ukugweba, makungabekwa siwiso, nasikhubekiso, phambi komzalwana.
14:14b.ROM.014.014 Ndiyazi, ndeyisekile, ndiseNkosini uYesu nje, ukuba akukho nto iyinqambi ngokwayo; kodwa ke kuye obalela into ekuthini iyinqambi, kulowo iyinqambi.
14:15b.ROM.014.015 Ukuba ke umzalwana wakho wenziwa buhlungu ngenxa yokusuka udle, akusahambi ngokothando. Musa ukumtshabalalisa ngokudla kwakho, yena lowo uKristu wamfelayo.
14:16b.ROM.014.016 Ngoko okulungileyo kwenu makunganyeliswa.
14:17b.ROM.014.017 Kuba ubukumkani bukaThixo abukukudla nakusela; bubulungisa noxolo novuyo kuMoya oyiNgcwele.
14:18b.ROM.014.018 Kuba omkhonzayo uKristu kwezo zinto, ukholekile kakuhle kuye uThixo; ucikidekile nakubo abantu.
14:19b.ROM.014.019 Ngoko ke masisukele izinto zoxolo, nezinto zokwakhana.
14:20b.ROM.014.020 Musa ukuthi, ngenxa yokudla, uwuchithe umsebenzi kaThixo. Okunene, konke kuhlambulukile; kodwa ke kubi kuloo mntu uthi ngokudla akhubekise.
14:21b.ROM.014.021 Kuhle ukuba ungadli nyama, ungaseli wayini, ungenzi nto angabetheka kuyo umzalwana wakho, akhubeke kuyo, aswele amandla okuzigcina.
14:22b.ROM.014.022 Wena unokholo na? Hlala nalo emehlweni kaThixo. Unoyolo lowo ungazigwebiyo kuloo nto ayicikidileyo.
14:23b.ROM.014.023 Ke lowo uthandabuzayo, ukuba uthe wadla, uselegwetyiwe, kuba engadli ngokwaselukholweni; konke ke okungekokwaselukholweni kusisono.
15
15:1b.ROM.015.001 Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi.
15:2b.ROM.015.002 Masithi sonke ngabanye simkholise ummelwane kokumlungeleyo, ukuze akheke.
15:3b.ROM.015.003 Kuba naye uKristu akazikholisanga; wathi, njengokuba kubhaliwe, Iingcikivo zabakungcikivayo zawa phezu kwam.
15:4b.ROM.015.004 Kuba izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba.
15:5b.ROM.015.005 Wanga ke uThixo wonyamezelo novuselelo anganinika ukucinga nto-nye phakathi kwenu, ngokukaKristu Yesu;
15:6b.ROM.015.006 ukuze nithi, nimxhelo mnye, engamlomo mnye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu.
15:7b.ROM.015.007 Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo.
15:8b.ROM.015.008 Ke kaloku ndithi, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqiniseke amadinga akhe koobawo;
15:9b.ROM.015.009 zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga, Ndilibethele uhadi igama lakho.
15:10b.ROM.015.010 Kananjalo athi, Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe.
15:11b.ROM.015.011 Kananjalo, Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga, Niyibonge, nonke nina bantu.
15:12b.ROM.015.012 Kananjalo uIsaya uthi, Liya kubakho iHlumelo likaYese; Uya kuvela oya kulawula iintlanga; Ziya kuthembela kuye iintlanga.
15:13b.ROM.015.013 Wanga ke uThixo wethemba elo anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele.
15:14b.ROM.015.014 Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, ninako nokululekana.
15:15b.ROM.015.015 Kodwa ke ndibhalile kuni ngobuganga obukhulu kwezinye iindawo, bazalwana, ngokophindayo ukunikhumbuza ngenxa yobabalo awandibabala ngalo uThixo,
15:16b.ROM.015.016 ukuze ndibe ngobusela iintlanga kuYesu Kristu, osebenza ububingeleli ngazo iindaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kungcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele.
15:17b.ROM.015.017 Ngoko ndiyazingca, ndikuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo.
15:18b.ROM.015.018 Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngezinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi, ngamandla emiqondiso nezimanga,
15:19b.ROM.015.019 ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu.
15:20b.ROM.015.020 Ndenjenjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye;
15:21b.ROM.015.021 kube njengokuba kubhaliwe, kwathiwa, Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona; Nabo bangevanga nto, baya kuqonda.
15:22b.ROM.015.022 Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni.
15:23b.ROM.015.023 Ngoku ke ndingasenandawo nje kule mimandla, ndineminyaka ke emininzi ndilangazelela ukuza kuni,
15:24b.ROM.015.024 xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo.
15:25b.ROM.015.025 Kalokunje ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele.
15:26b.ROM.015.026 Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile.
15:27b.ROM.015.027 Ndithi kwakholeka kubo, kuba kakade banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zifanele ukubabusela ngezizezenyama.
15:28b.ROM.015.028 Ngoko, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani.
15:29b.ROM.015.029 Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu.
15:30b.ROM.015.030 Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangalo uthando loMoya, ukuba nizame kunye nam ekundithandazeleni kuye uThixo,
15:31b.ROM.015.031 ukuze ndihlangulwe kwabaziingqola kwelakwaYuda, nokuze ulungiselelo lwam olusinga eYerusalem lube nokwamkeleka kakuhle kubo abangcwele,
15:32b.ROM.015.032 ukuze ndize kuni ndinovuyo, ngokuthanda kukaThixo, siphumzane.
15:33b.ROM.015.033 UThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen.
16
16:1b.ROM.016.001 Ke kaloku ndimyaleza kuni uFibhi, udade wethu, ongumlungiseleli webandla eliseKenkreya;
16:2b.ROM.016.002 ukuze nimamkele ngokwaseNkosini, ngokufanele abangcwele, nimncede emcimbini asukuba enifunela wona; kuba naye ubengumongi wabaninzi, nowam lo.
16:3b.ROM.016.003 Bulisani kuPrisila noAkwila, abasebenzisi bam abakuKristu Yesu;
16:4b.ROM.016.004 bona bathi, ngenxa yobomi bam, bazibeka emgoqweni ezabo iintamo, ekungabuleli mna ndedwa kubo, ekubulela nawo onke amabandla azo iintlanga.
16:5b.ROM.016.005 Bulisani nakwibandla elisendlwini yabo. Bulisani kuPeneto intanda yam, oyintlahlela yelaseAkaya kuKristu.
16:6b.ROM.016.006 Bulisani kuMariya, yena wabulalekayo kakhulu ngenxa yenu.
16:7b.ROM.016.007 Bulisani kuAndroniko noYuniya, imizalwane yam nabathinjwa ndawonye nam, bona badumileyo phakathi kwabapostile, kanjalo baba kuKristu ngaphambi kwam.
16:8b.ROM.016.008 Bulisani kuAmpliya, intanda yam ngokwaseNkosini.
16:9b.ROM.016.009 Bulisani ku-Urbhano, umncedisi wethu kuKristu, noStaki intanda yam.
16:10b.ROM.016.010 Bulisani kuApele ocikidekileyo kuKristu. Bulisani kwabakwa-Aristobhulo.
16:11b.ROM.016.011 Bulisani kuHerodiyo, umzalwane wam. Bulisani kwabakwaNarkiso abaseNkosini.
16:12b.ROM.016.012 Bulisani kuTrifena noTrifosa, abo babulalekayo emsebenzini weNkosi. Bulisani kuPersi, intanda, yena wabulalekayo kakhulu emsebenzini weNkosi.
16:13b.ROM.016.013 Bulisani kuRufo onyuliweyo waseNkosini, nonina, uma.
16:14b.ROM.016.014 Bulisani kuAsinkrito, kuFilego, kuHerme, kuPatrobha, kuHerma, nabazalwana abanabo.
16:15b.ROM.016.015 Bulisani kuFilologo, noYuliya, kuNere, nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abo bangcwele banabo.
16:16b.ROM.016.016 Bulisanani ngolwango olungcwele. Ayanibulisa amabandla kaKristu.
16:17b.ROM.016.017 Ke kaloku ndiyaniyala, bazalwana, balumkeleni abo benza iimbambaniso nezikhubekiso, ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, niphambuke kubo.
16:18b.ROM.016.018 Kuba abanjalo abakhonzi yona iNkosi yethu uKristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi.
16:19b.ROM.016.019 Kuba ukululama kwenu kuye kwafika kubo bonke. Ndiyavuya ngoko ngani; ndinga ke ningaba ngabalumkileyo okunene kokulungileyo; kodwa nibe ngabangenabuqhinga kokubi.
16:20b.ROM.016.020 UThixo ke woxolo uya kumtyumza uSathana kamsinya phantsi kweenyawo zenu. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani.
16:21b.ROM.016.021 Bayanibulisa ooTimoti, osebenza nam, noLukiyo, noYason, noSosipatro, imizalwane yam.
16:22b.ROM.016.022 Ndiyanibulisa ngokwaseNkosini, mna Tertiyo, uyibhalileyo le ncwadi.
16:23b.ROM.016.023 Uyanibulisa uGayo, esilundwendwe lwakhe, mna nebandla liphela. Uyanibulisa uErasto, igosa lomzi, noKwarto umzalwana.
16:24b.ROM.016.024 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.
16:25b.ROM.016.025 Ke kaloku, kuye onako ukunizimasa ngokweendaba zam ezilungileyo, novakaliso lukaYesu Kristu, ngokokutyhilwa kwemfihlelo ebifihliwe kwasephakadeni, ebonakalalisiweyo ke ngoku,
16:26b.ROM.016.026 eyaziswayo kanjalo ngezibhalo zabaprofeti ngokommiselo kaThixo ongunaphakade, ukuba kubekho ukulululamela ukholo, kuzo zonke iintlanga:
16:27b.ROM.016.027 kuThixo olumke yedwa, ngaye uYesu Kristu, malubekho uzuko kude kube ngunaphakade. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Romans (Xhosa). Romans (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3FA-2