Acts (Xhosa)

Acts (Xhosa)

1

1:1b.ACT.001.001 Eyokuqala imbali, Tiyofilo, ndayenza kambe ndibalisa ngezinto zonke awaqala ngazo uYesu ukuzenza kwanokuzifundisa,

1:2b.ACT.001.002 kwada kwayimini awanyuswa ngayo, akuba ebawisele umthetho ngoMoya oyiNgcwele abapostile awayebanyule;

1:3b.ACT.001.003 awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima, wazimisa ephilile phambi kwabo, ngeziganeko ezininzi, ezibonakalalisa ngokwakhe kubo kwiintsuku ezimashumi mane, ethetha izinto ezingabo ubukumkani bukaThixo.

1:4b.ACT.001.004 Uthe, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangahlukani neYerusalem; mabalinde idinga loYise, awathi ukuthetha, Naliva kum;

1:5b.ACT.001.005 ngokuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.

1:6b.ACT.001.006 Bona ke ngoko, bebuthelene, babembuza besithi, Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?

1:7b.ACT.001.007 Uthe ke kubo, Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo.

1:8b.ACT.001.008 Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.

1:9b.ACT.001.009 Waza etshilo, bakubon’ ukuba bakhangele, wafukulwa; lathi ilifu lemka naye emehlweni abo.

1:10b.ACT.001.010 Bakuba beqwalasele ezulwini, akubon’ ukuba uyemka, kwabonakala kumi ngakubo amadoda amabini eneengubo ezimhlophe,

1:11b.ACT.001.011 awatshoyo ukuthi, Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.

1:12b.ACT.001.012 Baza babuyela eYerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, ekufuphi kwiYerusalem, uhambo lwesabatha.

1:13b.ACT.001.013 Bathe ke bakungena, banyukela egumbini eliphezulu ababehlala kulo, inguPetros, noYakobi, noYohane, noAndreya, uFilipu, noTomas, uBhartolomeyu, noMateyu, noYakobi ka-Alifeyu, noSimon umZeloti, noYuda umzalwana kaYakobi.

1:14b.ACT.001.014 Aba bonke babezingisa ngamxhelo mnye ekuthandazeni nasekukhungeni, ndawonye nabafazi, noMariya unina kaYesu, kwandawonye naba zalwana bakhe.

1:15b.ACT.001.015 Ngaloo mihla wesuka wema uPetros phakathi kwabo abazalwana (laye inani lamagama ndawonye lingathi lilikhulu elinamanci amabini), wathi,

1:16b.ACT.001.016 Madoda, bazalwana, esi sibhalo simelwe kukuba sizaliseke, sathethwayo ngaphambili nguMoya oyiNgcwele ngomlomo kaDavide ngaye uYuda, owaba ngumkhokeli kwabo bambambayo uYesu;

1:17b.ACT.001.017 ngokuba wayebalelwe kuthi, wasizuza isabelo solu lungiselelo.

1:18b.ACT.001.018 Lowo ke ngoko wazuza umhlaba ngomvuzo wokungalungisi; wathi ekhahleleke phantsi ngobuso, wagqabhuka phakathi, zaphalala zonke izibilini zakhe.

1:19b.ACT.001.019 Kwazeka oko kubo bonke abemiyo eYerusalem, wada loo mhlaba ngeyabo intetho kwathiwa yiAkeldama, oko kukuthi, ngumhlaba wegazi.

1:20b.ACT.001.020 Kuba kubhaliwe encwadini yeeNdumiso kwathiwa, Umzi wakhe mawube yintlango, Kungabikho umiyo kuwo; Buthi nobuveleli bakhe buthatyathwe ngomnye.

1:21b.ACT.001.021 Ngoko, kuwo amadoda abehamba nathi, ngalo lonke ixesha ebingena iphuma phakathi kwethu iNkosi uYesu,

1:22b.ACT.001.022 iqalele elubhaptizweni lukaYohane, yada yayimini eyanyuswa ngayo kuthi, kumele ukuba kubekho enye kuwo eba lingqina lokuvuka kwayo, kunye nathi.

1:23b.ACT.001.023 Bamisa mabini, uYosefu, okuthiwa nguBharsabhas, ogama limbi linguYusto, noMatiya.

1:24b.ACT.001.024 Bathandaza bathi, Wena, Nkosi, Mazi weentliziyo zabo bonke, yalatha kwaba babini oyena umnyulileyo,

1:25b.ACT.001.025 ukuba asithabathe isabelo solu lungiselelo nobupostile, awaphambukayo kubo uYuda, ukuze aye kweyakhe indawo.

1:26b.ACT.001.026 Bawisa amaqashiso abo; lathi iqashiso laphuma noMatiya; wabalelwa ndawonye nabapostile abalishumi elinamnye.

2

2:1b.ACT.002.001 Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste, baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye.

2:2b.ACT.002.002 Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo.

2:3b.ACT.002.003 Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye.

2:4b.ACT.002.004 Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele.

2:5b.ACT.002.005 Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu.

2:6b.ACT.002.006 Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho.

2:7b.ACT.002.007 Bathi nqa ke bonke, bamangaliswa, wathi omnye komnye, Kanene aba bonke bathethayo asingamaGalili na?

2:8b.ACT.002.008 Kutheni na ke ukuba sibeve nje sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo?

2:9b.ACT.002.009 Thina maParti, namaMedi, namaElam, nathi simiyo kwelaseMesopotami, kwelakwaYuda kwanakwelaseKapadoki, kwelasePonto nakwelaseAsiya,

2:10b.ACT.002.010 kwelaseFrigi kwanakwelasePamfili, kwelaseYiputa, nasemacaleni elaseLibhi ngaseKirene, nathi bahambi baseRoma, singamaYuda kwanabangeni ebuYudeni,

2:11b.ACT.002.011 thina maKrete nama-Arabhi, sibeva bona bezithetha ngezakomawethu iilwimi izinto ezinkulu zikaThixo.

2:12b.ACT.002.012 Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto?

2:13b.ACT.002.013 Abanye ke babehlekisa ngabo, besithi, Bahluthi yiwayini enencasa.

2:14b.ACT.002.014 Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, waphimisela ukuthetha, wathi kubo: Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele iindlebe amazwi am.

2:15b.ACT.002.015 Aba abanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini.

2:16b.ACT.002.016 Oku khona koko kuthethiweyo ngomprofeti uYoweli, kwathiwa,

2:17b.ACT.002.017 Kuya kuthi ngayo imihla yokugqibela, utsho uThixo, Ndimthulule uMoya wam phezu kwayo yonke inyama, Baprofete oonyana benu neentombi zenu, Athi amadodana enu abone imibono, Namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha;

2:18b.ACT.002.018 Ewe, ndaye, phezu kwabakhonzi bam, naphezu kwabakhonzazana bam, ngaloo mihla Ndiya kumthulula uMoya wam, baprofete;

2:19b.ACT.002.019 Ndenze izimanga ezulwini phezulu, Nemiqondiso emhlabeni phantsi, Igazi, nomlilo, nentshinyela yomsi.

2:20b.ACT.002.020 Ilanga liya kusuka libe mnyama, Ithi inyanga ibe ligazi; Phambi kokuba ize imini yeNkosi, Leyo inkulu ibalulekileyo.

2:21b.ACT.002.021 Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe.

2:22b.ACT.002.022 Madoda, maSirayeli, waveni la mazwi: UYesu waseNazarete, indoda eqondakalisiweyo nguThixo kuni ngemisebenzi yamandla, nangezimanga, nangemiqondiso, awayenzayo uThixo ngayo phakathi kwenu, njengokuba nisazi nani ngokwenu:

2:23b.ACT.002.023 yena lowo, ekhutshwe ngecebo elimisiweyo likaThixo nangokwazi kwakhe kwenxa engaphambili, namthabatha ngezandla zabachasene nomthetho, nambethelela emnqamlezweni, namsika;

2:24b.ACT.002.024 athe uThixo wamvusa, eyikhulule inimba yokufa; ngokokuba ebengenako ukubanjwa kuko.

2:25b.ACT.002.025 Kuba uDavide uthi, esingisele kuye, Ndahlala ndiyibona iNkosi phambi kwamehlo am, Ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa.

2:26b.ACT.002.026 Ngenxa yoko intliziyo yam yaba nemihlali, lwagcoba ulwimi lwam; Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba; Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo.

2:27b.ACT.002.027 Kananjalo akuyi kumnikela oyiNgcwele wakho ekuboneni ukubola.

2:28b.ACT.002.028 Wandazisa iindlela zobomi; Uya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho.

2:29b.ACT.002.029 Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla.

2:30b.ACT.002.030 Ngoko, kuba engumprofeti, esazi nokwazi ukuba uThixo wamfungela isifungo sokuba esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama uya kuvelisa uKristu, ukuba ahlale phezu kwetrone yakhe:

2:31b.ACT.002.031 uthe ebona ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola.

2:32b.ACT.002.032 UThixo wamvusa lo Yesu, esingamangqina ako oko thina sonke.

2:33b.ACT.002.033 Ephakanyisiwe ngoko sisandla sokunene sikaThixo, elamkele kanjalo idinga loMoya oyiNgcwele kuYise, uthulule oku nikubonayo, nikuvayo, kalokunje nina.

2:34b.ACT.002.034 Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini, ke uthi ngokwakhe, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam,

2:35b.ACT.002.035 Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.

2:36b.ACT.002.036 Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli, ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena lo Yesu nambethelelayo emnqamlezweni nina.

2:37b.ACT.002.037 Ke kaloku bathe, bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile, Madoda, bazalwana, sithini na?

2:38b.ACT.002.038 Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele.

2:39b.ACT.002.039 Kuba idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza.

2:40b.ACT.002.040 Nangamanye amazwi amaninzi wayeqononondisa, evuselela esithi, Zisindiseni kwesi sizukulwana sigoso.

2:41b.ACT.002.041 Bathe ke ngoko, abalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa ngaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu.

2:42b.ACT.002.042 Baye ke bezingisa ukuhlala emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni.

2:43b.ACT.002.043 Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile.

2:44b.ACT.002.044 Bonke ke ababekholwa babendawonye, benobudlelane ngeento zonke.

2:45b.ACT.002.045 Baye bethengisa nangemihlaba nangempahla yabo, babele bonke, njengoko ebethi ubani aswele ngako.

2:46b.ACT.002.046 Babezingisa ukuhlala bemxhelo mnye etempileni imihla ngemihla, beqhekeza isonka kwizindlu ngezindlu, besidla ukudla benemigcobo, benolungelelwano lwentliziyo,

2:47b.ACT.002.047 bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. Yaye iNkosi isongeza abasiNdiswayo imihla ngemihla kulo ibandla.

3

3:1b.ACT.003.001 Ke kaloku, uPetros, noYohane babenyuka bendawonye, besiya etempileni ngexesha lomthandazo, ililixa lesithoba.

3:2b.ACT.003.002 Kwaye ke kuthwelwe ndoda ithile, ibisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo, ababeyibeka imihla ngemihla emnyango wetempile, lowo kuthiwa Mhle, ukuba icele amalizo kwabangenayo etempileni;

3:3b.ACT.003.003 eyathi, yakubona uPetros noYohane beza kungena etempileni, yacela ukuba bayilize.

3:4b.ACT.003.004 Uthe ke uPetros, enoYohane, eqwalasele kuyo wathi, Khangela kuthi apha.

3:5b.ACT.003.005 Yabagqala ke, ilinde ukwamkela into kubo.

3:6b.ACT.003.006 Wathi ke uPetros, Isilivere negolide andinayo, kodwa endinako ndikunika khona: egameni likaYesu Kristu umNazarete, vuka uhambe.

3:7b.ACT.003.007 Wayibamba ngesandla sokunene, wayivusa; zomelezeka ke kwalapho iinyawo zayo namaqatha ayo.

3:8b.ACT.003.008 Yesuka umtsi, yema, yahambahamba, yangena nabo etempileni, ihambahamba itsiba, imdumisa uThixo.

3:9b.ACT.003.009 Baza bonke abantu bayibona ihambahamba, idumisa uThixo;

3:10b.ACT.003.010 bayazi nokuyazi, ukuba ingulowa ubehlalela amalizo eMnyango oMhle wetempile, bathi qhiphu umbilini, bathi nqa yiloo nto ihlileyo kuyo.

3:11b.ACT.003.011 Ke kaloku, sakubon’ ukuba isiqhwala esiphilisiweyo sibabambe ngesandla ooPetros noYohane, bonke abantu babalekela kubo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon, beqhiphuke umbilini kakubi.

3:12b.ACT.003.012 Akukubona ke oko uPetros, waphendula wathi kubo abantu, Madoda, maSirayeli, yini na ukuba nimangaliswe yile nto? Kanjalo yini na ukuba nisijonge, ngathi simenze wahamba ngawethu amandla, nangokwethu ukuhlonela uThixo?

3:13b.ACT.003.013 UThixo wooAbraham noIsake noYakobi, uThixo woobawo bethu, umzukisile umkhonzi wakhe uYesu, enamnikelayo, namkhanyela ebusweni bukaPilato nina, akubon’ ukuba yena ugwebe ngelithi, makakhululwe.

3:14b.ACT.003.014 Ke nina namkhanyela oyiNgcwele, oliLungisa, nacela ukuba ninikwe indoda engumbulali.

3:15b.ACT.003.015 Ke yona iMbangi yobomi nayibulala; awayivusayo uThixo kwabafileyo, esingamangqina ako oko thina.

3:16b.ACT.003.016 Nangenxa yokukholwa kwigama layo, lo nimbonayo, nimaziyo, limomelezile igama layo; lwathi ukholo olungayo lwamnika oku kuphila kupheleleyo phambi kwenu nonke.

3:17b.ACT.003.017 Nangoku, bazalwana, ndiyazi ukuba nenze ngokungazi, njengabo nabo abaphathi benu.

3:18b.ACT.003.018 Ke uThixo, izinto awazixela ngenxa engaphambili ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe, zokuba uKristu eve ubunzima, uzizalisile wenjenje.

3:19b.ACT.003.019 Guqukani ke ngoko, nibuye, ukuze zicinywe izono zenu; ngokokuze afike amathuba okuphumza, evela ebusweni beNkosi;

3:20b.ACT.003.020 ithume uYesu Kristu, owayevakalisiwe kuni ngenxa engaphambili;

3:21b.ACT.003.021 lowo kumele okunene ukuba amazulu amamkele, kude kufike amaxesha okubuyiswa kweento zonke, awawathethayo uThixo ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe abangcwele, kususela kunaphakade.

3:22b.ACT.003.022 Kuba uMoses okunene wathi koobawo, INkosi uThixo wenu iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; ze nimve yena kuzo zonke izinto asukuba eya kuzithetha kuni.

3:23b.ACT.003.023 Yothi ke yonke imiphefumlo engathanga imve loo mprofeti, ibhujiswe kuphele phakathi kwabantu.

3:24b.ACT.003.024 Nabo ke bonke abaprofeti, bethabathela kuSamuweli nakwabalandelayo, bonke abathethileyo, bayixela loo mihla ngenxa engaphambili.

3:25b.ACT.003.025 Nina ningoonyana babo abaprofeti, nabomnqophiso awanqophisana ngawo noobawo bethu uThixo, esithi kuAbraham, Yaye ke iya kusikeleleka embewini yakho yonke imizalwane yehlabathi.

3:26b.ACT.003.026 Uthe uThixo, akuba emvusile umkhonzi wakhe uYesu, wamthuma kuni kuqala, ukuba anisikelele ngokuniguqula nonke ngabanye kwiinkohlakalo zenu.

4

4:1b.ACT.004.001 Bakubon’ ukuba bayathetha kubo abantu, ababingeleli, nomphathi wetempile, nabaSadusi, bathi gaga phezu kwabo,

4:2b.ACT.004.002 bebindekile ngenxa yokuba befundisa abantu, bekuxela ukuvuka kubo abafileyo ngoku kukaYesu ukuvuka.

4:3b.ACT.004.003 Babesa izandla, babafaka entolongweni, kwada kwaba lingomso; kuba bekuse kuhlwile.

4:4b.ACT.004.004 Ke kaloku into eninzi yabo babelivile ilizwi, yakholwa; lathi inani lamadoda langa limawaka mahlanu.

4:5b.ACT.004.005 Kwathi ke ngengomso, kwahlanganiselana eYerusalem abaphathi babo, namadoda amakhulu, nababhali,

4:6b.ACT.004.006 noAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, nabo bonke abomlibo wombingeleli omkhulu.

4:7b.ACT.004.007 Bathe bakuba bebamise phakathi, bababuza besithi, Le nto nina niyenze ngamandla mani na, nangagama lini na?

4:8b.ACT.004.008 Wandula uPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wathi kubo, Nina baphathi babantu, nani madoda makhulu akwaSirayeli,

4:9b.ACT.004.009 ukuba thina namhlanje sincinwa ngomsebenzi wokumsiza umntu ongumlwelwe, ukuba uthiweni na ukusindiswa:

4:10b.ACT.004.010 makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile.

4:11b.ACT.004.011 Nguye lo ilitye elenziwa into engento nini bakhi, elisuke laba yintloko yembombo.

4:12b.ACT.004.012 Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.

4:13b.ACT.004.013 Ke kaloku, bakubona ukungafihlisikuthetha koPetros noYohane, beqiqa nokuba ngabantu abangenamfundo, abangenakwazi, bamangaliswa; babaqonda ukuba babenaye uYesu.

4:14b.ACT.004.014 Bakumbona ke umntu emi nabo, yena lowo uphilisiweyo, ababanga nandawo yakuphika.

4:15b.ACT.004.015 Bakuba bethe mabaphume entlanganisweni yamatyala, bacebisana bodwa, besithi, Siya kubathini na aba bantu?

4:16b.ACT.004.016 Kuba okunene, ukuba kuhle ngabo umqondiso owazekayo, oyinto ebonakalayo kubo bonke abemi eYerusalem, nathi asinakuyikhanyela loo nto.

4:17b.ACT.004.017 Ukuze ke loo nto ingahlakazeki ngakumbi ebantwini, masise sibasongela ngelokuba bangabi sathetha mntwini ngeli gama.

4:18b.ACT.004.018 Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu.

4:19b.ACT.004.019 Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo;

4:20b.ACT.004.020 kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo.

4:21b.ACT.004.021 Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula; bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.

4:22b.ACT.004.022 Kuba wayedlule emashumini amane eminyaka umntu lowo, wawuhle kuye lo mqondiso wokuphiliswa.

4:23b.ACT.004.023 Ke kaloku, bakundululwa, baya kwababo, babika oko zingako izinto abazithethayo kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu.

4:24b.ACT.004.024 Bona ke, bekuvile oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Mnini-nto-zonke, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto;

4:25b.ACT.004.025 owathi ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho, Zazibhavumelani na iintlanga, Zaza izizwe zacamanga izinto ezingento?

4:26b.ACT.004.026 Bazimisa ookumkani behlabathi, Nabaphathi bahlanganisana ndawonye Ngokuyichasa iNkosi, naye uKristu wayo.

4:27b.ACT.004.027 Kuba, inyaniso, ngaye uMkhonzi wakho oyingcwele onguYesu, owamthambisayo, kwahlanganisana uHerode, kwanoPontiyo Pilato, ndawonye neentlanga nabantu bakwaSirayeli,

4:28b.ACT.004.028 ukuba benze izinto zonke ezamiswayo ngenxa engaphambili sisandla sakho nalicebo lakho, ukuba zibekho.

4:29b.ACT.004.029 Okwangoku ke, Nkosi, zikhangele izisongelo zabo, ubanike abakhonzi bakho ukuba balithethe ilizwi lakho ngako konke ukungafihlisi,

4:30b.ACT.004.030 ekusoluleni isandla sakho ukuba uphilise, nokuba kubekho imiqondiso nezimanga ngegama loMkhonzi wakho oyingcwele, uYesu.

4:31b.ACT.004.031 Bakubon’ ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo, bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo.

4:32b.ACT.004.032 Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; zonke izinto zaye zizezobudlelane kubo.

4:33b.ACT.004.033 Baye abapostile bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke.

4:34b.ACT.004.034 Kuba kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babesithi bathengise ngazo, bawazise amaxabiso ezo zinto kuthengisiweyo ngazo,

4:35b.ACT.004.035 bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako.

4:36b.ACT.004.036 Ke kaloku uYose, owathiywa ngabapostile elinye igama lokuba nguBharnabhas (elithi, lakuthethwa ngentetho evakalayo, ngumfo wovuselelo), umLevi waseSipro ngokuzalwa,

4:37b.ACT.004.037 wathi enomhlaba wathengisa ngawo, wayizisa imali, wayibeka ezinyaweni zabapostile.

5

5:1b.ACT.005.001 Ke kaloku indoda ethile, uHananiya ngegama, inoSafira umkayo, yathengisa ngemfuyo yayo.

5:2b.ACT.005.002 Yashinta kulo ixabiso layo, esazi naye umkayo; yazisa nxenye ithile, yayibeka ezinyaweni zabapostile.

5:3b.ACT.005.003 Wathi ke uPetros, Hananiya, kungani na ukuba uSathana azalise intliziyo yakho, ukuba umxokise uMoya oyiNgcwele, ushinte kulo ixabiso lomhlaba?

5:4b.ACT.005.004 Oko ube uhleli, ubungahleli kuwe na? Kanjalo uthengisiwe, ubungekhona na egunyeni lakho? Yini na ukuba uyibeke le nto entliziyweni yakho? Akuxoke kubantu, uxoke kuThixo.

5:5b.ACT.005.005 Ewavile ke uHananiya la mazwi, wawa, waphuma umphefumlo; kwabakho ukoyika okukhulu kubo bonke ababezivile ezi zinto.

5:6b.ACT.005.006 Asuka ke amadodana amsonga, amthwalela phandle, amngcwaba.

5:7b.ACT.005.007 Kwaba mzuzwana ke, ngathi ngowamaxa amathathu, wathi umkakhe, engayazi loo nto ihlileyo, wangena.

5:8b.ACT.005.008 Umphendule ke uPetros wathi, Ndixelele, umhlaba lo wakhutshelwa inani elingaka na? Wathi ke yena, Ewe, elingako.

5:9b.ACT.005.009 Uthe ke uPetros kuye, Yini na ukuba nivumelane ngokumlinga uMoya weNkosi? Uyabona, iinyawo zabo bangcwabe indoda yakho sezisemnyango; baya kukuthwalela phandle.

5:10b.ACT.005.010 Wawa ke kwalapho ezinyaweni zakhe, waphuma umphefumlo; bangena ke abafana, bamfumana efile, bamthwalela phandle, bamngcwabela ngasendodeni yakhe.

5:11b.ACT.005.011 Kwabakho ukoyika kulo lonke ibandla, nakubo bonke abazivayo ezi zinto.

5:12b.ACT.005.012 Ke kaloku, ngazo izandla zabapostile kwabakho imiqondiso nezimanga ezininzi phakathi kwabantu; baye bonke bemxhelo mnye evarandeni kaSolomon.

5:13b.ACT.005.013 Ke kaloku, kwabanye akubangakho namnye waba nabuganga bakusinamathelisa kubo; baye abantu bebenze bakhulu.

5:14b.ACT.005.014 Kwaba kukhona bekongezwayo abakholwayo kwiNkosi, into eninzi yamadoda neyabafazi;

5:15b.ACT.005.015 bada bayithwalela phandle imilwelwe ezitratweni, bayibeka ezingqengqelweni nasezinkukweni, ukuze kuthi, akubon’ ukuba uPetros uyeza, kubekho kuyo ethi isityekelwe sisithunzi sakhe.

5:16b.ACT.005.016 Yaye ke ibuthelana eYerusalem nenkitha yabemizi ejikelezileyo, ithwele imilwelwe nabakhathazwa ngoomoya abangcolileyo, ababesithi bona baphiliswe bonke.

5:17b.ACT.005.017 Ke kaloku wesuka umbingeleli omkhulu, nabo bonke ababenaye (abangabehlelo labaSadusi), bazala ngumsindo;

5:18b.ACT.005.018 babesa izandla abapostile, babafaka entolongweni yabantu bonke.

5:19b.ACT.005.019 Ke kaloku isithunywa seNkosi sazivula iingcango zentolongo ebusuku, sabakhupha, sathi,

5:20b.ACT.005.020 Hambani, niye kuma nithethe etempileni kubo abantu onke amazwi obu bomi.

5:21b.ACT.005.021 Bevile ke, bangena kwangesifingo etempileni, bafundisa. Wafika ke umbingeleli omkhulu nabo babenaye, wayibizela ndawonye intlanganiso yamatyala, nawo onke amadoda amakhulu akoonyana bakaSirayeli; bathumela endlwini yamakhonkxwa ukuba beziswe.

5:22b.ACT.005.022 Ke kaloku, akufika amadindala, akabafumananga entolongweni; abuya ke abika, esithi,

5:23b.ACT.005.023 Indlu yamakhonkxwa siyifumene okunene ivalwe ngokuqinileyo kanye, nabalindi bemi ngaphandle phambi kweminyango. Sivulile ke, asifumananga mntu ngaphakathi.

5:24b.ACT.005.024 Bathe ke bakuweva la mazwi umbingeleli kwanomphathi wetempile, nababingeleli abakhulu, labakhohla, bathi,

5:25b.ACT.005.025 Azi, ingaba yintoni na le nto? Wafika ke othile, wababikela esithi, Yabonani, amadoda lawa beniwafake entolongweni, nangaya etempileni, emi efundisa abantu.

5:26b.ACT.005.026 Wesuka umphathi enamadindala, wabazisa kungengamandla; kuba babesoyika abantu, hleze baxulutywe ngamatye.

5:27b.ACT.005.027 Bebazisile ke, babamisa entlanganisweni yamatyala; wababuza umbingeleli omkhulu, esithi,

5:28b.ACT.005.028 Besinganithethelanga na kunene ngelithi, maningafundisi ngeli gama? Niyabona, niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu; nifuna ukulizisa phezu kwethu igazi lalo mntu.

5:29b.ACT.005.029 Waphendula ke uPetros nabapostile, bathi, Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.

5:30b.ACT.005.030 UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu, enambulalayo nina ngokumxhoma emthini.

5:31b.ACT.005.031 Yena lowo uThixo wamphakamisa ngesandla sakhe sokunene, wanguMthetheli noMsindisi, ukuze amnike uSirayeli inguquko noxolelo lwezono.

5:32b.ACT.005.032 Saye singamangqina akhe ezo ndawo thina, kwanoMoya oyiNgcwele, awamnika abo bamvayo yena uThixo.

5:33b.ACT.005.033 Bathe ke bona bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, babhunga ukuba babasike.

5:34b.ACT.005.034 Ke kaloku kwesuka kwema othile entlanganisweni yamatyala, umFarisi ogama linguGamaliyeli, umfundisi womthetho, obekekileyo kubantu bonke, wathi makhe bakhutshelwe phandle kancinane abapostile;

5:35b.ACT.005.035 wathi kubo, Madoda, maSirayeli, zilumkeleni ngento eniza kuyenza kwaba bantu.

5:36b.ACT.005.036 Kuba ngaphambi kwale mihla, kwesuka uTuda, esithi yena ngokwakhe unguthile; ekwanamathela kuye inani lamadoda angathi amakhulu mane; ngowasikwayo lowo; bathi bonke ababemthambele babhangazeka, ababa nto.

5:37b.ACT.005.037 Emva kwalowo kwesuka uYuda welaseGalili, ngemihla yobhalo lomlibo wokuzalwa, wakhukulisa abantu banela; naye lowo watshabalala; baza bonke ababemthambele bachithwachithwa.

5:38b.ACT.005.038 Kungoku ke ndithi kuni, Khwelelani kwaba bantu nibayeke; ngokuba eli cebo, nalo msebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha:

5:39b.ACT.005.039 ukuba ke lelikaThixo, aninakulitshitshisa; hleze nifunyanwe ningabalwa kwanoThixo.

5:40b.ACT.005.040 Bamthambela ke; bebabizile abapostile, babatyabula, babathethela ngelithi, mabangathethi ngegama likaYesu; babandulula ke.

5:41b.ACT.005.041 Bemka ke ngoko bona ebusweni bentlanganiso yamatyala, bevuya, ngokuba kuthiwe bakufanele ukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.

5:42b.ACT.005.042 Kananjalo imihla yonke etempileni, nasemakhaya, babengayeki ukufundisa nokushumayela iindaba ezilungileyo zokuba uYesu unguye uKristu.

6

6:1b.ACT.006.001 Ke kaloku ngaloo mihla, bakubon’ ukuba bayanda abafundi, kwabakho ukukrokra kwawesiGrike amaYuda ngakwawesiHebhere, ngokuba abahlolokazi bawo babesilela ekulungiselelweni kwemihla ngemihla.

6:2b.ACT.006.002 Bathe ke abalishumi elinababini bawubizela kubo umhlambi wabafundi, bathi, Akukholekile ukuba thina silishiye ilizwi likaThixo, silungiselele ezitafileni.

6:3b.ACT.006.003 Khangelani ngoko, bazalwana, amadoda kuni abe sixhenxe, angqinelwe ukulunga, ezele nguMoya oyiNgcwele nabubulumko, esiya kuwamisela lo msebenzi;

6:4b.ACT.006.004 ke thina siya kuzingisa ekuthandazeni nasekulungiseleleni ilizwi.

6:5b.ACT.006.005 Lakholeka ilizwi elo emehlweni omhlambi lowo wonke; banyula uStefano, indoda ezele lukholo nanguMoya oyiNgcwele, noFilipu, noProkoro, noNikanore, noTimon, noParmena, noNikolawo wakwa-Antiyokwe owa bengene ebuYudeni:

6:6b.ACT.006.006 ababamisayo emehlweni abapostile; bathi bakuthandaza, bazibeka izandla phezu kwabo.

6:7b.ACT.006.007 Laye liya likhula ilizwi likaThixo, liya lisanda kakhulu inani labafundi eYerusalem; laye neqela elikhulu lababingeleli lilululamela ukholo.

6:8b.ACT.006.008 Ke kaloku uStefano, ezele lukholo nangamandla, wayesenza izimanga nemiqondiso emikhulu phakathi kwabantu.

6:9b.ACT.006.009 Kwesuka ke abathile basesikhungwini ekuthiwa sesabaKhululwa, nabaseKirene, nabakwa-Alesandire, nabathile belaseKiliki, nabelaseAsiya, bephikisana noStefano;

6:10b.ACT.006.010 ababa namandla akumelana nabo ubulumko noMoya, awayethetha ngaye.

6:11b.ACT.006.011 Kwakuba njalo, banyebelezisa amadoda awathi, Simve ethetha amazwi okunyelisa uMoses noThixo.

6:12b.ACT.006.012 Kanjalo babahlokohla abantu, kwanamadoda amakhulu nababhali; baza bemfikele bamthi hlasi, bamsa ematyaleni amakhulu.

6:13b.ACT.006.013 Bamisa namangqina obuxoki, awathi, Lo mntu akayeki ukuthetha amazwi okunyelisa indawo engcwele nomthetho;

6:14b.ACT.006.014 kuba simve esithi, UYesu waseNazarete lo uya kuyichitha le ndawo, awenze wambi amasiko awawanikela kuthi uMoses.

6:15b.ACT.006.015 Bonke ababehleli entlanganisweni yamatyala, beqwalasele kuye, babubona ubuso bakhe, ngathi bubuso besithunywa sezulu.

7

7:1b.ACT.007.001 Wathi ke umbingeleli omkhulu, Zinjalo na ke ezi ndawo?

7:2b.ACT.007.002 Uthe ke yena: Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani. UThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, ekwelaseMesopotami, phambi kokuma kwakhe kwelakwaHaran,

7:3b.ACT.007.003 wathi kuye, Phuma kuwo umhlaba wakowenu nasemizalwaneni yakho, uze emhlabeni endingakubonisa wona.

7:4b.ACT.007.004 Waza waphuma ke emhlabeni wamaKaledi, wema kwelakwaHaran. Emveni kokufa kukayise, wamsusa apho, wamfudusela kulo mhlaba nimiyo kuwo nina ngoku.

7:5b.ACT.007.005 Akamnika lifa kuwo, kwanendawo engangonyawo; kodwa wambeka ngedinga lokuba uya kumnika ube ngowakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, phofu engekabi namntwana.

7:6b.ACT.007.006 Ke kaloku wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli emhla beni wabasemzini; baya kuyenza amakhoboka, bayiphathe kakubi iminyaka engamakhulu omane.

7:7b.ACT.007.007 Nohlanga olo, ethe yangamakhoboka kulo, ndiya kulugweba mna, watsho uThixo; yaye, emveni kwezi zinto, iya kuphuma indikhonze kule ndawo.

7:8b.ACT.007.008 Waza wamnika umnqophiso wolwaluko; wathi yena ekuwo, wazala uIsake, wamalusa ngomhla wesibhozo, waza uIsake wamenjenjalo uYakobi, waza noYakobi wabenjenjalo oomawokhulu abalishumi elinababini.

7:9b.ACT.007.009 Bathi oomawokhulu, bemmonele uYosefu, bathengisa ngaye, bamsingisa eYiputa; kodwa uThixo waba naye,

7:10b.ACT.007.010 wamncothula kuzo zonke iimbandezelo zakhe, wambabala ngobulumko phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; wammisa ukuba abe yirhuluneli phezu kweYiputa nendlu yakhe iphela.

7:11b.ACT.007.011 Ke kaloku kwafika indlala kuwo umhlaba waseYiputa uphela, nowakwaKanan, nembandezelo enkulu; baye oobawo bethu bengafumani kudla.

7:12b.ACT.007.012 Akuva ke uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wesusa oobawo bethu okokuqala.

7:13b.ACT.007.013 Wathi ngokwesibini, uYosefu wabuya waziwa ngabazalwana bakhe, saza isizalwane sikaYosefu saveliswa kuFaro.

7:14b.ACT.007.014 Wathumela ke uYosefu wambiza uyise uYakobi, nabo bonke abazalana naye, bayimiphefumlo engamashumi osixhenxe anesihlanu.

7:15b.ACT.007.015 Wehla ke uYakobi, waya eYiputa, wabhubha yena noobawo bethu;

7:16b.ACT.007.016 baza bathwalwa basiwa kwaShekem, babekwa engcwabeni awalithengayo uAbraham ngexabiso lemali koonyana bakaHamore, usoShekem.

7:17b.ACT.007.017 Lithe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa,

7:18b.ACT.007.018 kwada kwavela kumkani wumbi, ubengamazi uYosefu.

7:19b.ACT.007.019 Lowo wabalumkisa abakowethu, wabaphatha kakubi oobawo bethu, ngokokuze bazilahle iintsana zabo, ukuze zingabudli ubomi.

7:20b.ACT.007.020 Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise.

7:21b.ACT.007.021 Elahliwe ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo.

7:22b.ACT.007.022 Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangemisebenzi.

7:23b.ACT.007.023 Kuthe ke, kwakuzaliseka kuye ixesha leminyaka engamashumi amane, kwathi qatha entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli.

7:24b.ACT.007.024 Waza, akubona othile esoniwa, wamhlanganisela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo ngokumthi qwaka umYiputa:

7:25b.ACT.007.025 wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona.

7:26b.ACT.007.026 Kananjalo ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane?

7:27b.ACT.007.027 Uthe ke yena owayemonile uwabo wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu?

7:28b.ACT.007.028 Ungaba wena ufuna ukundisika na, ngohlobo omsike ngalo umYiputa izolo?

7:29b.ACT.007.029 Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, wangumphambukeli emhlabeni wakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana bababini.

7:30b.ACT.007.030 Kuthe ke kwakuzaliseka iminyaka emashumi mane, kwabonakala kuye kwintlango yentaba yeSinayi isithunywa seNkosi, elangatyeni lomlilo etyholweni.

7:31b.ACT.007.031 Ke kaloku, akukubona oko uMoses, wamangaliswa ngumbono lowo. Kuthe ke, akusondela ukuba awuqiqe, kwafika izwi leNkosi kuye lisithi,

7:32b.ACT.007.032 Mna ndinguThixo wabo ooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wesuka ke wagubha uMoses, akaba nabuganga bakuwuqiqa.

7:33b.ACT.007.033 Ithe ke kuye iNkosi, Zithukulule iimbadada ezinyaweni zakho; kuba indawo leyo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.

7:34b.ACT.007.034 Ndikubonile ndakubona ukuphathwa kakubi kwabantu bam abaseYiputa, ndakuva nokuncwina kwabo; ndihlile, ukuze ndibahlangule. Yiza ngoku, ndikuthume eYiputa.

7:35b.ACT.007.035 Lo Moses bamkhanyelayo, besithi, Umiswe ngubani na, ukuba ube ngumphathi nomahluli? uThixo wathuma yena, ukuba abe ngumphathi nomhlanguli ngesandla sesithunywa esabonakalayo kuye etyholweni.

7:36b.ACT.007.036 Yena lowo wabakhupha, akubon’ ukuba wenze izimanga nemiqondiso emhlabeni waseYiputa, naseLwandle oluBomvu, nasentlango, iminyaka engamashumi omane.

7:37b.ACT.007.037 Lowo nguloo Moses wathi koonyana bakaSirayeli, INkosi, uThixo wenu, iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; nize nimve yena.

7:38b.ACT.007.038 Nguye lowo owayephakathi kwalo ibandla entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, noobawo bethu; owamkelayo izihlabo zobomi, ukuze azinikele kuthi;

7:39b.ACT.007.039 abangathandanga kumlulamela oobawo bethu, besuka bamgiba, babuyela eYiputa ngeentliziyo zabo,

7:40b.ACT.007.040 besithi kuAron, Senzele oothixo abaya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses wasikhuphayo emhlabeni waseYiputa, asiyazi into emhleleyo.

7:41b.ACT.007.041 Benza ithole ngaloo mihla, benyusa amadini, bawasa esithixweni eso, baba nemihlali yimisebenzi yezabo izandla.

7:42b.ACT.007.042 Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa, Ningaba nisondeze kum imibingelelo neminikelo yini na Iminyaka emashumi mane entlango, ndlu kaSirayeli?

7:43b.ACT.007.043 Nathwala umnquba kaMoleki, Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan, Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo; Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli.

7:44b.ACT.007.044 Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile;

7:45b.ACT.007.045 lo kanjalo bawungenisayo, benikelana ngawo oobawo bethu, benoYoshuwa ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide;

7:46b.ACT.007.046 owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba.

7:47b.ACT.007.047 NguSolomon ke owamakhela indlu.

7:48b.ACT.007.048 Noko Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla; njengokuba esitsho umprofeti ukuthi,

7:49b.ACT.007.049 Izulu liyitrone yam, Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam; Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi; Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam?

7:50b.ACT.007.050 Asisisandla sam na, esenza zonke ezo zinto?

7:51b.ACT.007.051 Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo.

7:52b.ACT.007.052 Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo? Bababulala ababexela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa; enithe kalokunje naba ngabanikeli nababulali, bakhe.

7:53b.ACT.007.053 nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina.

7:54b.ACT.007.054 Ke kaloku, bathi bakuziva ezi zinto, bahlabeka ezintliziyweni zabo, bamtshixizela amazinyo.

7:55b.ACT.007.055 Ke yena, ezele nguMoya oyiNgcwele, waqwalasela ezulwini, wabona ubuqaqawuli bukaThixo, noYesu emi ngasekunene kukaThixo.

7:56b.ACT.007.056 Wathi, Yabonani, ndiwabona amazulu evulekile, ndimbona uNyana woMntu emi ngasekunene kukaThixo.

7:57b.ACT.007.057 Badanduluka ke ngezwi elikhulu, bazivingca iindlebe zabo, besuka indulumbane phezu kwakhe ngamxhelo mnye,

7:58b.ACT.007.058 bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye. Amangqina azibeka iingubo zawo ezinyaweni zendodana ekuthiwa nguSawule.

7:59b.ACT.007.059 Ayemgibisela ngamatye uStefano, yena ebiza esithi, Nkosi Yesu, wamkele umoya wam.

7:60b.ACT.007.060 Uguqile ke ngamadolo, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Nkosi, ungabamiseli esi sono. Akutsho, walala ubuthongo.

8

8:1b.ACT.008.001 Waye ke uSawule ekuthakazela ukusikwa kwakhe. Ke kaloku kwehla ngaloo mhla intshutshiso enkulu phezu kwalo ibandla eliseYerusalem; kanjalo bonke baba ziintsali emazweni akwaYuda naseSamariya, kwasala abapostile bodwa.

8:2b.ACT.008.002 Amthwala ke uStefano amadoda amoyikayo uThixo, aya kumngcwaba, amenzela isililo esikhulu.

8:3b.ACT.008.003 Waye ke uSawule elidlavula ibandla, engena kwizindlu ngezindlu, erhola amadoda kwanabafazi, ebafaka entolongweni.

8:4b.ACT.008.004 Bona ke ngoko ababeziintsali batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi.

8:5b.ACT.008.005 Wehla ke uFilipu, waya emzini welaseSamariya, wamvakalisa uKristu kubo.

8:6b.ACT.008.006 Zaye kanjalo izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu, ekuyiveni nasekuyiboneni kwazo imiqondiso abeyenza.

8:7b.ACT.008.007 Kuba oomoya abangcolileyo babephuma kwinto eninzi ebinabo, bebhomboloza ngezwi elikhulu; yathi ke into eninzi enedumbe neziziqhwala yaphiliswa.

8:8b.ACT.008.008 Kwabakho uvuyo olukhulu kuloo mzi.

8:9b.ACT.008.009 Ke kaloku bekukho ndoda ithile, igama linguSimon, kwangaphambili kuloo mzi, ebinyanga, ibethe luthi nqa uhlanga lwaseSamariya, isithi yona ngokwayo inguthile omkhulu;

8:10b.ACT.008.010 ababeyiphulaphula bonke, bethabathela komncinane base komkhulu, besithi, Lo ungamandla kaThixo amakhulu.

8:11b.ACT.008.011 Baye ke bemphulaphula, ngenxa yokuba ixesha elide wabetha bee nqa ngobunyangi bakhe.

8:12b.ACT.008.012 Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi.

8:13b.ACT.008.013 Wakholwa ke kwanaye uSimon; wathi akubhaptizwa, wazingisa ukuhlala noFilipu, ebona imiqondiso kwanemisebenzi emikhulu yamandla isenzeka, wathi nqa.

8:14b.ACT.008.014 Ke kaloku, bakuva abapostile aba beseYerusalem, ukuba abaseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathuma uPetros noYohane kubo;

8:15b.ACT.008.015 abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele;

8:16b.ACT.008.016 kuba ebengekaweli namnye kubo; babebhaptizelwe nje kodwa egameni leNkosi uYesu.

8:17b.ACT.008.017 Bandula ukubeka izandla phezu kwabo, bamamkela ke uMoya oyiNgcwele.

8:18b.ACT.008.018 Ke kaloku uSimon, akubona ukuba ngokubekwa kwezandla zabapostile uyanikwa uMoya oyiNgcwele, wezisa kubo imali,

8:19b.ACT.008.019 esithi, Ndinikeni nam eli gunya, ukuze lowo, ndithe ndazibeka izandla phezu kwakhe, amkele uMoya oyiNgcwele.

8:20b.ACT.008.020 Uthe ke uPetros kuye, Isilivere yakho mayiye kutshabalala nawe; ngokuba ububa isipho sikaThixo singazuzwa ngemali.

8:21b.ACT.008.021 Akunasahlulo nasabelo kule nto; kuba intliziyo yakho ayithe tye emehlweni kaThixo.

8:22b.ACT.008.022 Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingathi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho.

8:23b.ACT.008.023 Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswela-bulungisa.

8:24b.ACT.008.024 Waphendula ke uSimon wathi, Ndikhungeleni nina eNkosini, ukuze ndingahlelwa nanye yezo zinto nizithethileyo.

8:25b.ACT.008.025 Bona ke ngoko, bakuba beqononondisile, belithetha ilizwi leNkosi, babuya beza eYerusalem; kanjalo imizi emininzi yelaseSamariya bayishumayeza iindaba ezilungileyo.

8:26b.ACT.008.026 Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango.

8:27b.ACT.008.027 Usukile ke waya. Kwavela indoda engumTiyopiya, ithenwa, isikhulu sikaKandase, ukumkanikazi wamaTiyopiya, ebiphethe bonke ubutyebi bakhe, eyayize kunqula uThixo eYerusalem.

8:28b.ACT.008.028 Yayibuya, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya.

8:29b.ACT.008.029 Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo.

8:30b.ACT.008.030 Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya; wathi, Uyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo?

8:31b.ACT.008.031 Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yambongoza uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo.

8:32b.ACT.008.032 Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibiyile ithi, Njengemvu esiwa ekuxhelweni, Njengemvana esisimumu phambi komchebi wayo, Wenjenjalo yena ukungawuvuli umlomo wakhe.

8:33b.ACT.008.033 Ekuthobekeni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa; Ngubani na ke owosicacisa ukusixela isizukulwana sakhe? Ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni.

8:34b.ACT.008.034 Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; uzithetha yena na, uthetha mntu wumbi, kusini na?

8:35b.ACT.008.035 Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, waqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu.

8:36b.ACT.008.036 Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa?

8:37b.ACT.008.037 Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo.

8:38b.ACT.008.038 Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini, uFilipu kwanethenwa; walibhaptiza.

8:39b.ACT.008.039 Xeshikweni ke babenyukile, baphuma emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba sambona ithenwa, kuba lalihamba ngeyalo indlela livuya.

8:40b.ACT.008.040 UFilipu ke wafunyanwa eAzoto; watyhutyha ilizwe, eyishumayeza imizi yonke iindaba ezilungileyo, wada weza eKesareya.

9

9:1b.ACT.009.001 Ke kaloku uSawule, esabafuthela ngeentsongelo neembulalo abafundi beNkosi, waya kumbingeleli omkhulu;

9:2b.ACT.009.002 wacela kuye iincwadi zokuya eDamasko ezindlwini zesikhungu, ukuze athi, ethe wafumana abathile bale Ndlela, amadoda kwanabafazi, abazise bekhonkxiwe eYerusalem.

9:3b.ACT.009.003 Kuthe ke ekuhambeni kwakhe, wasondela eDamasko; waza ngesiquphe wabanekelwa ngeenxa zonke lukhanyiso oluvela ezulwini;

9:4b.ACT.009.004 wawa emhlabeni, weva izwi lisithi kuye, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na?

9:5b.ACT.009.005 Wathi ke yena, Ungubani na, Nkosi? Ithe ke iNkosi, Mna ndinguye uYesu omtshutshisayo wena; wenzakala, ukhaba iimviko nje.

9:6b.ACT.009.006 Waza egubha, eqhiphuke umbilini, wathi, Nkosi, ufuna ukuba ndenze ntoni na? Yathi iNkosi kuye, Vuka, uye kungena emzini lowo; woyixelelwa into omelwe kukuyenza.

9:7b.ACT.009.007 Ke kaloku amadoda abehamba naye ema engenakuthetha, eliva okunene lona izwi, kodwa engaboni mntu.

9:8b.ACT.009.008 Wavuka ke uSawule emhlabeni; wathi akuvulwa amehlo akhe, akabona mntu; bamrhola ke ngesandla, baza kumngenisa eDamasko.

9:9b.ACT.009.009 Waye emihla mithathu engaboni, engadli, engaseli nokusela.

9:10b.ACT.009.010 Ke kaloku bekukho mfundi uthile eDamasko, ugama linguHananiya; yathi iNkosi kuye embonweni, Hananiya. Uthe ke yena, Ndilapha, Nkosi.

9:11b.ACT.009.011 Ithe ke iNkosi kuye, Phakama, uye esitratweni ekuthiwa sesithe Tye, ubuzise endlwini kaYuda umntu ogama linguSawule waseTarso; kuba nanko ethandaza;

9:12b.ACT.009.012 waye ebone embonweni indoda egama linguHananiya ingena, ibeka isandla phezu kwakhe, ukuze abuye abone.

9:13b.ACT.009.013 Uphendule ke uHananiya wathi, Nkosi, ndivile kwabaninzi ngale ndoda, ukuba zinkulu kwazo izinto ezimbi ezenze kwabangcwele bakho eYerusalem;

9:14b.ACT.009.014 nalapha, ikho nje, inegunya kubabingeleli abakhulu lokukhonkxa bonke abo balinqulayo igama lakho.

9:15b.ACT.009.015 Yathi ke kuye iNkosi, Yiya; ngokuba lowo usisitya esinyuliweyo ndim, sokuphatha igama lam emehlweni eentlanga, nookumkani, kwanoonyana bakaSirayeli;

9:16b.ACT.009.016 kuba mna ndiya kumbonisa ukuba zinkulu kwezinto ezinzima, amelwe kukuziva ngenxa yegama lam.

9:17b.ACT.009.017 Wemka ke uHananiya, waya kungena endlwini; ebeke izandla phezu kwakhe, wathi, Sawule, mzalwana, indithumile iNkosi uYesu, ebonakele kuwe endleleni oze ngayo, ukuze ubuye ubone, uzaliswe nguMoya oyiNgcwele.

9:18b.ACT.009.018 Kwaoko kwawa emehlweni akhe izinto ezingathi ziinkwethu; wabuya wabona kwaoko, wavuka, wabhaptizwa;

9:19b.ACT.009.019 wathi akuba edlile, womelezeka. Ke kaloku uSawule waba nemihla ethile kubafundi abaseDamasko.

9:20b.ACT.009.020 Waye kwaoko, ezindlwini zesikungu, emvakalisa uYesu, ukuba lowo unguye uNyana kaThixo.

9:21b.ACT.009.021 Bathi nqa ke bonke abamvayo, bathi, Lo kanene asinguye na owababhuqa eYerusalem abo babelinqula eli gama? Waye nalapha ezele le nto, ukuba abase bekhonkxiwe kubabingeleli abakhulu.

9:22b.ACT.009.022 Kwaba kukhona ke womelelayo uSawule; wabetha adubadubeka amaYuda abemi eDamasko, ebonakalalisa ukuba lo nguye uKristu. Ke kaloku, kwakuzaliseka imihla eyaneleyo, abhunga amaYuda ukuba amsike.

9:23b.ACT.009.023 Laziwa ke nguSawule iyelenqe lawo elo.

9:24b.ACT.009.024 Awagcina ke namasango imini nobusuku, ukuba amsike.

9:25b.ACT.009.025 Bamthabatha ke abafundi ebusuku, bamhlisa ngodonga, bemthoba ngengobozi.

9:26b.ACT.009.026 Ke kaloku, akufika uSawule eYerusalem, wamana elinga ukuzibandakanya nabafundi; kodwa bamoyika bonke, bengakholwa ukuba ungumfundi.

9:27b.ACT.009.027 UBharnabhas ke wamthabatha wamsa kubapostile, wabacacisela ukuyibona kwakhe iNkosi endleleni, nokuba yathetha naye, nokuthetha kwakhe ngokungafihlisiyo eDamasko egameni likaYesu.

9:28b.ACT.009.028 Waye enabo ke, engena ephuma eYerusalem, ethetha ngokungafihlisiyo egameni leNkosi uYesu.

9:29b.ACT.009.029 Wamana ethetha ephikisana namaYuda esiGrike; ayezamela ke wona ukumsika.

9:30b.ACT.009.030 Bekwazile ke oko abazalwana, bamhlisela eKesareya, bamthumela eTarso.

9:31b.ACT.009.031 Laye ke ngoko ibandla kulo lonke elakwaYuda, nelaseGalili, nelaseSamariya, linoxolo, lisakheka, lihamba liyoyika iNkosi; laye lisanda ngentuthuzelo yoMoya oyiNgcwele.

9:32b.ACT.009.032 Ke kaloku, akuba uPetros etyhutyha iindawo zonke, wehla weza nakwabangcwele ababemi eLida.

9:33b.ACT.009.033 Wafumana ke khona umntu othile, ogama linguEneya, eminyaka isibhozo elele elukhukweni enedumbe.

9:34b.ACT.009.034 Wathi uPetros kuye, Eneya, uyakuphilisa uYesu Kristu; vuka, wandlule. Wavuka kwaoko.

9:35b.ACT.009.035 Bambona bonke ababemi eLida naseSharon, babuyela eNkosini.

9:36b.ACT.009.036 Ke kaloku, eYopa kwakukho mfundikazi uthile, ugama linguTabhita, ekuthiwa ngentetho evakalayo nguDorkas; yena lowo wayezele yimisebenzi elungileyo, nasisisa abenaso.

9:37b.ACT.009.037 Wathi ke ngaloo mihla, wahliwa sisifo, wafa; bathe ke bakuba bemhlambile, bambeka egumbini eliphezulu.

9:38b.ACT.009.038 Ke kaloku iLida ibikufuphi nje neYopa; bathi abafundi, bevile ukuba uPetros ukhona, bathuma amadoda amabini kuye, bembongoza ukuba eze kubo, angalibali.

9:39b.ACT.009.039 Wesuka ke uPetros, wahamba nawo. Efikile, bamsa egumbini eliphezulu; bema ngakuye bonke abahlolokazi, belila, bembonisa ukuba zininzi kwazo iingubo zangaphantsi nezokwaleka abezenza uDorkas oko ebenabo.

9:40b.ACT.009.040 Wabakhuphela phandle ke bonke uPetros, waguqa ngamadolo, wathandaza; waza eguqukele esidumbini wathi, Tabhita, vuka. Wawavula ke amehlo akhe; wathi akubona uPetros, wesuka wahlala.

9:41b.ACT.009.041 Wamnika ke isandla sakhe, wamphakamisa; wababiza abangcwele nabahlolokazi abo, wammisa phambi kwabo ephilile.

9:42b.ACT.009.042 Kwesuka ke oko kwazeka kuyo yonke iYopa; baba baninzi abakholwayo eNkosini.

9:43b.ACT.009.043 Wathi ke wahlala imihla emininzi eYopa naSimon uthile, ungumsuki wezikhumba.

10

10:1b.ACT.010.001 Ke kaloku, kwaye kukho eKesareya ndoda ithile, igama linguKorneli, umthetheli-khulu wasebuthweni lamasoldati ekuthiwa lelaseItali, emhlonelayo,

10:2b.ACT.010.002 emoyikayo uThixo, kunye nayo yonke indlu yayo; ibaliza abantu kunene; kanjalo yayimana ikhunga kuThixo.

10:3b.ACT.010.003 Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lenini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Hina, Korneli!

10:4b.ACT.010.004 Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Sithe ke kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo emehlweni kaThixo.

10:5b.ACT.010.005 Susa kwangoku amadoda, aye eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros;

10:6b.ACT.010.006 yena ulundwendwe lukaSimon, umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo uya kukuxelela into omelwe kukuyenza.

10:7b.ACT.010.007 Ke kaloku, sakuba simkile isithunywa eso besithetha noKorneli, wabiza zazibini kwizicaka zakhe zasendlwini, nesoldati elimhlonelayo uThixo kwabehlala ehleli naye;

10:8b.ACT.010.008 waza, ebacacisele zonke iindawo, wabathuma eYopa.

10:9b.ACT.010.009 Ke kaloku ngengomso, bakubon’ ukuba basendleleni bona, besondela kuwo umzi, wenyuka uPetros, waya phezu kwendlu, malunga nelixa lesithandathu, ukuba athandaze.

10:10b.ACT.010.010 Wesuka ke walamba kakhulu, wanga angakhe afumane into edliwayo; kuthe ke, bakubon’ ukuba ke bayamlungisela, wawelwa lithongo:

10:11b.ACT.010.011 wabona izulu livulekile, kusihla phezu kwakhe sitya sithile, ngathi yilinen enkulu ebotshwe kumasondo omane, sithotyelwa emhlabeni;

10:12b.ACT.010.012 ekwaye kukho kuso zonke izinto zomhlaba ezizitho zine, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu.

10:13b.ACT.010.013 Kwabakho izwi lisithi kuye, Vuka, Petros, xhela udle.

10:14b.ACT.010.014 Uthe ke uPetros, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, andizanga ndiyidle.

10:15b.ACT.010.015 Laphinda izwi okwesibini lathi kuye, Izinto uThixo azihlambululeyo, musa ukuzenza inqambi wena.

10:16b.ACT.010.016 Kwabakho ke oku kathathu; sabuya isitya eso senyuswa, sasiwa ezulwini.

10:17b.ACT.010.017 Ke kaloku, xa uPetros wayethingaza ngaphakathi kwakhe, ukuba ungaba uyintoni na umbono lo awubonileyo, kwasuka kwathi gqi amadoda abethunyiwe evela kuKorneli, ebuza indlu kaSimon, emi esangweni;

10:18b.ACT.010.018 akhwaza, ebuza ukuba uSimon, ogama limbi linguPetros, ulundwendwe apha na.

10:19b.ACT.010.019 Ke kaloku, akubon’ ukuba uPetros uyacinga ngawo umbono lowo, wathi uMoya kuye, Nanga amadoda amathathu ekufuna;

10:20b.ACT.010.020 suka uhle, uhambe nawo, ungathandabuzi nento, ngokokuba athunywe ndim.

10:21b.ACT.010.021 Wehla ke uPetros, waya kuwo amadoda abethunyiwe kuye evela kuKorneli, wathi, Niyabona, ndingulowo nimfunayo; ngumcimbi mni na enize ngawo?

10:22b.ACT.010.022 Athe ke wona, UKorneli umthetheli-khulu, indoda elilungisa, emoyikayo uThixo, kanjalo engqinelwe ukulunga lulo lonke uhlanga lwamaYuda, uhlatyelwe sisithunywa esingcwele ukuba akubize, uze endlwini yakhe, eve amazwi kuwe.

10:23b.ACT.010.023 Wawabizela phakathi ngoko, aba lundwendwe lwakhe. Ke kaloku ngengomso, uPetros wemka nawo, nabazalwana abathile baseYopa bahamba naye.

10:24b.ACT.010.024 Baza ngengomsomnye bangena eKesareya. Waye ke uKorneli ebalindile; wayebizele ndawonye imizalwane yakhe, nezihlobo zakhe ezibuhlungu.

10:25b.ACT.010.025 Kwathi ke, xa angenayo uPetros, uKorneli wamhlangabeza, wawa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye.

10:26b.ACT.010.026 Uthe ke uPetros wamvusa, esithi, Phakama; nam ngokwam ndingumntu.

10:27b.ACT.010.027 Wangena encokola naye, wabafumana bebuthelene bebaninzi.

10:28b.ACT.010.028 Kananjalo wathi kubo, Niyazi kakuhle nina, ukuba akusesikweni ukuthi indoda engumYuda inamathele isondele kowolunye uhlanga; mna ke uThixo undibonisile, ukuba ndingabizi mntu ngokuthi uyinqambi, ungongcolileyo.

10:29b.ACT.010.029 Kungoko ke ndizileyo ndingaphikanga ndakubizwa. Ndizile ke; ndiyabuza ngoko, ukuba nindibize ngandawoni na?

10:30b.ACT.010.030 UKorneli wathi, Kuse kuntsuku ne ndizila ukudla, kwada kwaleli lixa lemini. Ngelixa lesithoba ke bendithandaza endlwini yam, kwesuka kwathi gqi indoda, yema phambi kwam, inengubo eqaqambileyo;

10:31b.ACT.010.031 yathi, Korneli, umthandazo wakho uviwe, namalizo akho akhunjulwe phambi koThixo;

10:32b.ACT.010.032 thumela ngoko eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; lowo ulundwendwe endlwini kaSimon, umsuki wezikhumba, ngaselwandle; oya kuthi akufika athethe nawe.

10:33b.ACT.010.033 Ndathumela ngoko kuwe kwaoko; nawe utyaphile ufike. Kaloku ngoko sikho thina sonke emehlweni kaThixo, ukuze sizive zonke izinto ozimiselweyo nguThixo.

10:34b.ACT.010.034 Ke kaloku uPetros wawuvula umlomo wakhe wathi, Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu;

10:35b.ACT.010.035 kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.

10:36b.ACT.010.036 Ilizwi elo walithumelayo koonyana bakaSirayeli, eshumayela iindaba ezilungileyo zoxolo ngoYesu Kristu (nguye iNkosi yabo bonke),

10:37b.ACT.010.037 nina niyalazi ilizwi elenzekayo kulo lonke elakwaYuda, liqalela kwelaseGalili, emva kobhaptizo awaluvakalisayo uYohane:

10:38b.ACT.010.038 okokuba uThixo wamthambisa ngoMoya oyiNgcwele nangamandla uYesu waseNazarete, owagqiba ilizwe esiza, ephilisa bonke abaxinzelelweyo nguye uMtyholi; ngokuba uThixo ubenaye.

10:39b.ACT.010.039 Thina singamangqina ezinto zonke awazenzayo ezweni lamaYuda, kwanaseYerusalem; abamsikayo ngokumxhoma emthini.

10:40b.ACT.010.040 Yena lowo uThixo wamvusa ngomhla wesithathu, wenza ukuba abonakale,

10:41b.ACT.010.041 kungekubo abantu bonke, kukumangqina abenyuliwe ngenxa engaphambili nguThixo: kuthi thina, sadlayo saselayo naye emveni kokuvuka kwakhe kwabafileyo.

10:42b.ACT.010.042 Wasithethela ngelithi, masivakalise ebantwini, siqononondise ukuba yena nguye omisiweyo nguThixo, ukuba abe ngumgwebi wabaphilileyo nabafileyo.

10:43b.ACT.010.043 Bonke abaprofeti bayamngqinela yena lo, ukuba, ngegama lakhe, bamkeliswa uxolelo lwezono bonke abakholwayo kuye.

10:44b.ACT.010.044 Uthe akubon’ ukuba usawathetha uPetros la mazwi, wasuka wabawela uMoya oyiNgcwele bonke ababeliva ilizwi.

10:45b.ACT.010.045 Amangaliswa amakholwa olwaluko onke abeze noPetros; ngokuba isipho soMoya oyiNgcwele sathululwa naphezu kweentlanga;

10:46b.ACT.010.046 kuba aziva zithetha ngalwimi zimbi, zimenza mkhulu uThixo. Wandula waphendula uPetros wathi,

10:47b.ACT.010.047 Kukho unako yini na ukuthintela amanzi, ukuba bangabhaptizwa aba bamamkeleyo uMoya oyiNgcwele, kwanjengathi nje?

10:48b.ACT.010.048 Wamisa ukuthi mababhaptizwe egameni leNkosi. Baza bamcela ukuba akhe ahlale iintsuku ezithile.

11

11:1b.ACT.011.001 Ke kaloku, abapostile nabazalwana ababekwelakwaYuda beva ukuba nazo iintlanga zilamkele ilizwi likaThixo.

11:2b.ACT.011.002 Uthe ke uPetros akuba enyuke waya eYerusalem, babambana naye abolwaluko,

11:3b.ACT.011.003 besithi, Uye wangena kumadoda angalukileyo, wadla nawo.

11:4b.ACT.011.004 Waqala ke uPetros wabatyhilela ngokucacileyo, esithi,

11:5b.ACT.011.005 Mna ndandisemzini oyiYopa ndithandaza; ndabona ethongweni umbono, kusihla isitya esithile, ngathi yilinen enkulu, ithotywa ezulwini ngamasondo omane, yada yaza kufika kum;

11:6b.ACT.011.006 endithe ndakuqwalasela kuyo, ndaqiqa, ndabona izinto zomhlaba ezizitho zine, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu.

11:7b.ACT.011.007 Ndeva ke izwi lisithi kum, Vuka, Petros, xhela udle.

11:8b.ACT.011.008 Ndithe ke mna, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, ayizanga ingene emlonyeni wam.

11:9b.ACT.011.009 Landiphendula ke ilizwi okwesibini, liphuma ezulwini, lathi, Izinto azihlambululeyo uThixo, musa ukuzenza iinqambi wena.

11:10b.ACT.011.010 Oku ke kwabakho kathathu; zaza zonke ezo zinto zabuya zarholelwa ezulwini.

11:11b.ACT.011.011 Gqi! kwaoko amadoda amathathu, ema ngasendlwini ebendikuyo, esuswe eKesareya ukuba eze kum.

11:12b.ACT.011.012 Wathi ke uMoya kum, mandihambe nawo, ndingathandabuzi nto. Bahamba ke nam, naba bazalwana bobathandathu; sangena endlwini yendoda leyo;

11:13b.ACT.011.013 yasibikela kananjalo ukubona kwayo isithunywa sezulu endlwini yayo, esemayo sathi kuyo, Thuma amadoda eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros,

11:14b.ACT.011.014 oya kuthetha kuwe amazwi, owosindiswa ngawo wena, nayo yonke indlu yakho.

11:15b.ACT.011.015 Ke kaloku, ekuqaleni kwam ukuthetha, uMoya oyiNgcwele wabawela, njengoko wasiwelayo nathi ekuqaleni.

11:16b.ACT.011.016 Ndakhumbula ke izwi leNkosi lokokuba ibithe, UYohane okunene wabhaptiza ngamanzi, kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele.

11:17b.ACT.011.017 Ukuba ngoko uThixo wabapha isipho esingangeso wasiphayo nathi thina sakholwayo eNkosini uYesu Kristu, mna ke bendingubani na, ukuba ndide ndibe nako ukumthintela uThixo?

11:18b.ACT.011.018 Bakuziva ke ezo zinto, bathi cwaka, bamzukisa uThixo, besithi, Kanti na ke neentlanga ezi uThixo uziphe ukuguqukela ebomini.

11:19b.ACT.011.019 Abaya ke ngoko, babeziintsali ngembandezelo eyabakho ngoStefano, batyhutyha ilizwe, bada beza kwelaseFenike, naseSipro, nakwa-Antiyokwe, bengalithethi bantwini bambi, belithetha kumaYuda odwa.

11:20b.ACT.011.020 Yaye ke inxenye kubo ingamadoda aseSipro naseKirene; eyathi yona yakufika kwa-Antiyokwe, yathetha kwawesiGrike amaYuda, ishumayela iindaba ezilungileyo zeNkosi uYesu.

11:21b.ACT.011.021 Saye ke isandla seNkosi sinawo, kanjalo kwakholwa inani elikhulu, labuyela eNkosini.

11:22b.ACT.011.022 Lwavakala ke udaba lwabo ezindlebeni zebandla laseYerusalem; bakhupha uBharnabhas, ukuba ahambe, ade aye kufika kwa-Antiyokwe;

11:23b.ACT.011.023 othe akufika, walubona ubabalo lukaThixo, wavuya, wabavuselela bonke, ukuba bathi ngengqibo yentliziyo bahlale bethe nca eNkosini.

11:24b.ACT.011.024 Ngokuba ebeyindoda elungileyo, ezele nguMoya oyiNgcwele nalukholo. Kongezelelwa eNkosini inani elaneleyo.

11:25b.ACT.011.025 Wemka ke uBharnabhas, waya eTarso, esiya kufuna uSawule;

11:26b.ACT.011.026 wathi akuba emfumene, wamsa kwa-Antiyokwe. Kwathi ke, umnyaka uphela, bahlangana nebandla, bafundisa inani elaneleyo. Kananjalo abafundi baqala ukubizwa ukuba ngamaKristu kwa-Antiyokwe.

11:27b.ACT.011.027 Ke kaloku ngaloo mihla, kwehla abaprofeti, besuka eYerusalem, beza kwa-Antiyokwe.

11:28b.ACT.011.028 Kwesuka ke omnye wabo, ogama linguAgabho, waqondisa ngaye uMoya ukuba kuza kubakho indlala enkulu kulo lonke elimiweyo; eyabakho ke ngemihla kaKlawudiyo Kesare.

11:29b.ACT.011.029 Kubo ke abafundi, njengoko uthile ebenabo ubutyebi, wathi elowo kubo wagqiba ukuthumela into yokubanceda abazalwana ababemi kwelamaYuda;

11:30b.ACT.011.030 abathe bakwenza nokukwenza, bathumela kuwo amadoda amakhulu ngesandla sikaBharnabhas noSawule.

12

12:1b.ACT.012.001 Ke kaloku, ngelo xesha uHerode ukumkani wabesa izandla abathile balo ibandla, ukuba abaphathe kakubi;

12:2b.ACT.012.002 wambulala ke uYakobi, umzalwana kaYohane, ngekrele.

12:3b.ACT.012.003 Wathi, akubona ukuba oko kuwakholisile amaYuda, waqokela ngokubamba noPetros (yaye ke iyimihla yezonka ezingenagwele leyo).

12:4b.ACT.012.004 Akuba ke embambile, wamfaka entolongweni, wamnikela kumaqela amane amasoldati angamane, ukuba amgcine; engxamele ukuze emveni kwepasika amkhuphe, amse ebantwini.

12:5b.ACT.012.005 Wagcinwa ngoko okunene uPetros entolongweni; ke kwathandazwa libandla ngenyameko kuThixo ngenxa yakhe.

12:6b.ACT.012.006 Xa ke uHerode wayeza kumkhupha, uPetros ngobo busuku wayelele phakathi kwamasoldati amabini, ekhonkxiwe ngemixokelelwane emibini; baye nabalindi beyigcinile intolongo phambi kwesango.

12:7b.ACT.012.007 Yabona, naso isithunywa seNkosi, sisithi gaga phezu kwakhe, kwakhanya nokukhanya kwelo gumbi lentolongo; sambetha ecaleni uPetros, samvusa, sisithi, Phakama msinya. Yawa imixokelelwane yakhe ezandleni.

12:8b.ACT.012.008 Sathi kanjalo isithunywa eso kuye, Bhinqa, ubophe izixathula zakho. Wenjenjalo ke. Sithi kuye, Yithi wambu ingubo yakho, undilandele.

12:9b.ACT.012.009 Waphuma, wasilandela; wayengazi ukuba iyinene le nto yenziweyo ngesithunywa eso; ebeba ke ubone umbono.

12:10b.ACT.012.010 Begqithile ke kwelokuqala nakwelesibini iqela labalindi, bafika esangweni lentsimbi elibhekisa kuwo umzi, elathi lavuleka kubo ngokwalo; bakuphuma, bahamba isitrato sasinye; sathi kwaoko semka isithunywa eso kuye.

12:11b.ACT.012.011 Waza uPetros akuziqonda wathi, Kaloku ndiyazi okwenyaniso, ukuba iNkosi ithume isithunywa sayo, yandihlutha esandleni sikaHerode, nakuko konke ukulindela kwabantu bamaYuda.

12:12b.ACT.012.012 Uthe ke akuyiqonda loo nto, weza endlwini kaMariya, unina kaYohane ogama limbi linguMarko, apho bekuqukene khona into eyaneleyo ithandaza.

12:13b.ACT.012.013 Akubon’ ukuba ke unkqonkqozile uPetros elucangweni lwesango, kweza kuphulaphula isicakazana esigama linguRoda.

12:14b.ACT.012.014 Silazile ke izwi likaPetros, asilivulanga isango, ngenxa yokuvuya; sabalekela ke phakathi, saxela ukuba uPetros umi phambi kwesango.

12:15b.ACT.012.015 Bathe ke bona kuso, Uyageza. Saqinisela ke sathi, Hayi, kunjalo. Babesithi ke bona, Sisithunywa sakhe.

12:16b.ACT.012.016 Uthe ke uPetros wamana enkqonkqoza; bathi ke bakuvula bambona, bathi nqa.

12:17b.ACT.012.017 Uwangawangisile ke ngesandla kubo, ukuba bathi cwaka, wabacacisela ukumkhupha kwayo iNkosi entolongweni. Wathi ke, Babikeleni ooYakobi nabazalwana ezi zinto. Waphuma waya kwenye indawo.

12:18b.ACT.012.018 Ke kaloku, kwakusa, ayibanga ncinane inkathazeko phakathi kwamasoldati, yokuba angaba utheni na uPetros.

12:19b.ACT.012.019 Uthe ke uHerode, akuba emfuna engamfumani, wabancina abalindi, wathi makumkiwe nabo, baye kubulawa. Waza uPetros wehla kwelakwaYuda, waya eKesareya, walibala khona.

12:20b.ACT.012.020 Ke kaloku uHerode wayebaqumbele kakhulu abaseTire nabaseTsidon. Beza ke kuye bemxhelo mnye; bathi, bemthomalalisile uBlasto, obephethe igumbi lokulala ukumkani, bazicelela uxolo, ngenxa yokuba ilizwe labo belisondliwa lelokumkani.

12:21b.ACT.012.021 Ke kaloku uHerode, ngemini emisiweyo, ambethe ingubo yobukumkani, wahlala etroneni yakhe, wawisa ukuthetha kwakhe kubo.

12:22b.ACT.012.022 Baduma ke abantu, besithi, Lilizwi lothixo elo, asilamntu.

12:23b.ACT.012.023 Samthi qwaka ke kwalapho isithunywa seNkosi, ngenxa enokuba engamzukisanga uThixo; wadliwa ziimpethu, waphuma umphefumlo.

12:24b.ACT.012.024 Laye ke likhula, lisanda ilizwi likaThixo.

12:25b.ACT.012.025 Ke kaloku uBharnabhas noSawule babuya eYerusalem, belufezile ulungiselelo olo, bethabathe nabo uYohane, ogama limbi linguMarko.

13

13:1b.ACT.013.001 Ke kaloku, kwaye kukho kwa-Antiyokwe, ebandleni ebelikhona, abaprofeti nabafundisi abathile, abangooBharnabhas, noSimon ekuthiwa nguNigere, noLukiyo waseKirene, kwanoManayen owondliwa noHerode umphathi wesahlulo sesine, noSawule.

13:2b.ACT.013.002 Bakubon’ ukuba ke bayabusa eNkosini, bezila ukudla, wathi uMoya oyiNgcwele, Ndahluleleni ke uBharnabhas kwanoSawule, baye emsebenzini endibabizele kuwo.

13:3b.ACT.013.003 Bathe ke, bakuba bezile ukudla, bathandaza, babeka nezandla phezu kwabo, babandulula.

13:4b.ACT.013.004 Bona ke ngoko, bakuthunywa nguMoya oyiNgcwele, behla baya kwaSeluki; kanjalo besuka apho ngomkhombe, baya eSipro.

13:5b.ACT.013.005 Bathe bakufika eSalamis, balishumayela ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungu zamaYuda. Baye ke benoYohane, ebancedisa.

13:6b.ACT.013.006 Besigqibile ke isiqhithi ngokuhamba, bada bafika ePafo; bafumana siyazi uthile, ungumprofeti wobuxoki, umYuda ogama linguBhar-yesu,

13:7b.ACT.013.007 owayehlala kwibamba uSergiyo Pawulos, indoda enokuqonda; eyababizela kuyo ooBharnabhas noSawule, yangxamela ukuliva ilizwi likaThixo.

13:8b.ACT.013.008 Wamelana nabo ke uElima, usiyazi lowo (kuba litsho igama lakhe lakuthethwa ngentetho evakalayo), efuna ukulijika ibamba elo elukholweni.

13:9b.ACT.013.009 Ke kaloku uSawule, okwanguPawulos, ezele nguMoya oyiNgcwele, wamjonga,

13:10b.ACT.013.010 wathi, Wena uzeleyo yiyo yonke inkohliso, nabubo bonke ubutshijolo, nyanandini woMtyholi, lutshabandini lobulungisa bonke, akuyi kupheza na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi?

13:11b.ACT.013.011 Uyabona, nangoku isandla seNkosi siphezu kwakho; uya kuba yimfama, kube mzuzu ungaliboni ilanga. Kwalapho ke wawelwa lurhatyazo nobumnyama; wayephamzela, efuna abangamrhola ngesandla.

13:12b.ACT.013.012 Lithe ke ibamba, lakukubona oko kwenzekileyo, lakholwa, likhwankqisiwe yiyo imfundiso yeNkosi.

13:13b.ACT.013.013 Ke kaloku, bakunduluka ngomkhombe ePafo abo babenoPawulos, beza ePerga yelasePamfili. Wahlukana ke nabo uYohane, wabuyela eYerusalem.

13:14b.ACT.013.014 Bendulukile ke bona ePerga, batyhutyha beza kufika kwa-Antiyokwe kwelasePisidi. Bangena endlwini yesikhungu ngomhla wesabatha, bahlala phantsi.

13:15b.ACT.013.015 Ke kaloku, emva kokuleswa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lokuvuselela abantu, thethani.

13:16b.ACT.013.016 Usukile ke uPawulos, wawangawangisa ngesandla, wathi: Madoda, maSirayeli, nani nimoyikayo uThixo, phulaphulani.

13:17b.ACT.013.017 UThixo waba bantu amaSirayeli wabanyula oobawo bethu, wabaphakamisa abantu ekuphambukeleni kwabo emhlabeni waseYiputa, wabakhupha kuwo ngengalo ephakamileyo.

13:18b.ACT.013.018 Wathi ngexesha eliyiminyaka engathi imashumi mane, wayithwala imikhwa yabo entlango;

13:19b.ACT.013.019 wathi akuwisa iintlanga ezisixhenxe emhlabeni wakwaKanan, wababela umhlaba wazo ngeqashiso.

13:20b.ACT.013.020 Emva koko, iminyaka engathi imakhulu mane anamanci mahlanu, wabanika abagwebi, kwada kwakuSamuweli umprofeti.

13:21b.ACT.013.021 Emva koko bacela ukumkani, uThixo wabanika uSawule, unyana kaKishe, indoda yesizwe sakwaBhenjamin, iminyaka emashumi mane.

13:22b.ACT.013.022 Akumkhupha yena, wabavelisela uDavide, wangukumkani; awamngqinelayo kanjalo, wathi, Ndimfumene uDavide okaYese, indoda engantliziyo yam, eya kukwenza konke ukuthanda kwam.

13:23b.ACT.013.023 Embewini yalowo, uthe uThixo ngokwedinga wavelisa uYesu, ukuba abe nguMsindisi kuSirayeli;

13:24b.ACT.013.024 kwakubon’ ukuba uYohane uvakalise tanci, phambi kokungena kwakhe, ubhaptizo loguquko kubo bonke abantu bakwaSirayeli.

13:25b.ACT.013.025 Xa ke uYohane ebesekulufezeni uhambo lwakhe, ubesithi, Nithi nina ndingubani na? Andinguye. Yabonani, kuza emva kwam endingafanelekileyo ukuba ndizithukulule iimbadada ezinyaweni zakhe.

13:26b.ACT.013.026 Madoda, bazalwana, nyana bomlibo wakwa-Abraham, nabo phakathi kwenu bamoyikayo uThixo, ilizwi lolu lusindiso lathunyelwa kuni.

13:27b.ACT.013.027 Kuba abo bemiyo eYerusalem, nabaphathi babo, bengamazanga lowo, kwanamazwi abaprofeti aleswayo iisabatha ngeesabatha zonke, bawazalisa ngokumgweba;

13:28b.ACT.013.028 bathi, bengafumananga nalinye ityala lokufa, bacela kuPilato ukuba asikwe.

13:29b.ACT.013.029 Xa ke babezifezile zonke izinto ezibhaliweyo ngaye, bamthula emthini, bambeka engcwabeni.

13:30b.ACT.013.030 Uthe ke uThixo wamvusa kwabafileyo,

13:31b.ACT.013.031 Yena lowo wabonwa imihla emininzi ngabo babenyuke naye, bevela kwelaseGalili besiya eYerusalem; ngabo ke abangamangqina akhe ebantwini.

13:32b.ACT.013.032 Nathi sinishumayeza iindaba ezilungileyo zedinga elo labakho koobawo bethu,

13:33b.ACT.013.033 zokokuba uThixo ulizalisile lona kuthi, bantwana babo, ngokumvusa uYesu; njengokuba nakwiNdumiso yesibini kubhaliwe kwathiwa, Wena unguNyana wam, ndikuzele mna namhla.

13:34b.ACT.013.034 Malunga ke nokumvusa kwakhe kwabafileyo, angabi sabuyela ekuboleni, uselethe ukuthetha, Ndiya kuninika iinceba eziqinisekileyo zikaDavide.

13:35b.ACT.013.035 Kungoko athi nakwenye iNdumiso, Akuyi kumyekela oyiNgcwele wakho ukuba abone ukubola.

13:36b.ACT.013.036 Kuba uDavide okunene, akuba elisebenzele kwesakhe isizukulwana icebo likaThixo, walala ubuthongo, wabekwa kooyise, wakubona ukubola;

13:37b.ACT.013.037 ke yena owavuswayo nguThixo, akabonanga kubola.

13:38b.ACT.013.038 Makwazeke ngoko kuni, madoda, bazalwana, ukuba ngaye lowo kuxelwa kuni uxolelo lwezono;

13:39b.ACT.013.039 nakuzo zonke izinto ebeningenako ukugwetyelwa nikhululeke kuzo ngomthetho kaMoses, bonke abakholwayo bayagwetyelwa ngaye yena lowo.

13:40b.ACT.013.040 Lumkani ke ngoko, ningafikelwa koko kuthethiweyo ebaprofetini, kusithiwa,

13:41b.ACT.013.041 Bonani, nina badeli, nimangaliswe, nithi shwaka; Ngokuba mna ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu, Umsebenzi eningasayi kukholwa kuwo, nokuba kukho othi anicacisele.

13:42b.ACT.013.042 Ke kaloku, akubon’ ukuba ayaphuma amaYuda endlwini yesikhungu, babongoza abeentlanga, ukuba la mazwi athethwe kubo ngesabatha ezayo.

13:43b.ACT.013.043 Sakubon’ ukuba ke sichithakele isikhungu, into eninzi yamaYuda neyabangene ebuYudeni, abamhlonelayo uThixo, yabalandela ooPawulos noBharnabhas; abathi bona, bethetha kubo, babeyisela ekuthini, mabahlale behleli elubabalweni lukaThixo.

13:44b.ACT.013.044 Kuthe ke ngelandelayo isabatha, waphantsa ukuhlanganisana umzi wonke, ukuba ulive ilizwi likaThixo.

13:45b.ACT.013.045 Ke kaloku amaYuda, akuzibona izihlwele, azala ngumona, aziphika izinto ezibe zithethwa nguPawulos, aphika enyelisa.

13:46b.ACT.013.046 Bathetha ke ngokungafihlisiyo uPawulos noBharnabhas, bathi, Bekufuneka ukuba lithethwe kuni kuqala ilizwi likaThixo; ekubeni ke niligibile, nazigweba ukuba anibufanele ubomi obungunaphakade, niyabona, sibheka kuzo iintlanga.

13:47b.ACT.013.047 Kuba isiwisele umthetho ngokunjalo iNkosi, yathi, Ndikubekile ukuba ube lukhanyiselo lweentlanga, Ukuze ube ngowosindiso, kude kuse ekupheleni kwehlabathi.

13:48b.ACT.013.048 Bakuva ke oko abeentlanga, bavuya, balizukisa ilizwi leNkosi, bakholwa bonke ababemiselwe ubomi obungunaphakade.

13:49b.ACT.013.049 Laye ke ilizwi leNkosi lihanjiswa kulo lonke ilizwe elo.

13:50b.ACT.013.050 Ke kaloku amaYuda abaxhokonxa abafazi ababehlonela uThixo, ababekekileyo, nabaninimzi; abaxhoxhela intshutshiso ooPawulos noBharnabhas, abakhupha emideni yawo.

13:51b.ACT.013.051 Bathe ke bona bawavuthululela uthuli lweenyawo zabo, beza eIkoniyo.

13:52b.ACT.013.052 Baye ke abafundi bezaliswe luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.

14

14:1b.ACT.014.001 Kwathi ke eIkoniyo, bangena kunye endlwini yesikhungu yamaYuda, bathetha ngokokude kukholwe inkitha enkulu yamaYuda kwanamaGrike.

14:2b.ACT.014.002 Asuka ke wona amaYuda angavumiyo ukuva, ayenza yamibi imiphefumlo yabeentlanga ngakubo abazalwana.

14:3b.ACT.014.003 Balibala ke ngoko ixesha elaneleyo, bethetha ngokungafihlisiyo ngeNkosi, eyalingqinelayo ilizwi lobabalo lwayo, inika nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngezandla zabo.

14:4b.ACT.014.004 Yahlulelana ke inkoliso yomzi; inxenye yangakumaYuda, inxenye yangakubapostile.

14:5b.ACT.014.005 Bathe ke, bakubon’ ukuba abeentlanga nabangamaYuda, kunye nabaphathi bawo, bangxamele ukubaphatha kakubi, babagibisele ngamatye:

14:6b.ACT.014.006 bakuqiqa oko bona, basabela emizini yelaseLikawoni, iListra neDerbhe, nakuloo mimandla;

14:7b.ACT.014.007 baye bezishumayela nalapho iindaba ezilungileyo.

14:8b.ACT.014.008 Kwakuhleli ke ndoda ithile eListra, ife iinyawo, isisiqhwala kwasesizalweni sonina, ingazanga ihambe.

14:9b.ACT.014.009 Yona leyo yayimva uPawulos ethetha; owathi, eqwalasele kuyo, ebona ukuba inokholo lokusindiswa,

14:10b.ACT.014.010 wathi ngezwi elikhulu, Suka, ume ngeenyawo zakho, uthi nkqo; yesuka umtsi, yahambahamba.

14:11b.ACT.014.011 Ke kaloku iindimbane, zakukubona oko akwenzileyo uPawulos, zaphakamisa izwi lazo ngokwesiLikawoni, zisithi, Oothixo bahlile beza kuthi, befana nabantu.

14:12b.ACT.014.012 Kanjalo zazimbiza uBharnabhas ngokuthi nguZeyus, noPawulos ngokuthi nguHermes, ekubeni ke ibinguye obesisithethi.

14:13b.ACT.014.013 Kuthe ke umbingeleli kaZeyus, obephambi komzi wabo, wazisa iinkunzi zeenkomo nezidanga zeentyantyambo emasangweni, wafuna ukubingelela, kunye neendimbane.

14:14b.ACT.014.014 Bekuvile ke oko abapostile, ooBharnabhas noPawulos, bazikrazula iingubo zabo, batsiba phakathi kwendimbane, bedanduluka,

14:15b.ACT.014.015 besithi, Madoda, yini na ukuba nenjenje? Nathi singabantu abeva enikuvayo nina; sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba nibuye kwaba thixo bangento, nibuyele kuThixo ophilileyo, owenza izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto;

14:16b.ACT.014.016 owathi ezizukulwaneni ezadlulayo waziyeka zonke iintlanga, ukuba zihambe ngezazo iindlela;

14:17b.ACT.014.017 kanti ke noko akayekanga ukuzingqinela, esenza okulungileyo, esinika imvula evela ezulwini, namaxesha aneendyebo, ezanelisa iintliziyo zethu ngokudla nangemihlali.

14:18b.ACT.014.018 Besitsho, kwaba ngenkankulu ukuzidambisa iindimbane, ukuba zingabingeleli kubo.

14:19b.ACT.014.019 Ke kaloku kwafika amaYuda evela kwa-Antiyokwe naseIkoniyo, azixhokonxa iindimbane, amxuluba ngamatye uPawulos, amrholela ngaphandle komzi, eba ufile.

14:20b.ACT.014.020 Uthe, bakubon’ ukuba bamngqongile ke abafundi, wavuka waya kungena kuwo umzi. Ngengomso waphuma enoBharnabhas, waya eDerbhe.

14:21b.ACT.014.021 Bewushumayezile loo mzi iindaba ezilungileyo, benze nabafundi abaneleyo, babuya beza eListra, naseIkoniyo, nakwa-Antiyokwe,

14:22b.ACT.014.022 besomeleza imiphefumlo yabafundi, bebavuselela ukuba bahlale behleli elukholweni; besithi, Simelwe kukuphumela ezimbandezelweni ezininzi, ukungena ebukumkanini bukaThixo.

14:23b.ACT.014.023 Bathe ke bakuba benyule amadoda amakhulu kwibandla ngebandla, bethandazile kunye nokuzila ukudla, bawayaleza eNkosini awayekholwe kuyo.

14:24b.ACT.014.024 Betyhutyhe elasePisidi, bafika kwelasePamfili.

14:25b.ACT.014.025 Bathi, belithethile ilizwi ePerga; behla baya kwa-Atali.

14:26b.ACT.014.026 Besuka khona apho ngomkhombe, baya kwa-Antiyokwe, apho babenikelwe khona elubabalweni lukaThixo, ukuba baye emsebenzini, lo ke bawufezileyo.

14:27b.ACT.014.027 Befikile ke, balihlanganisa ibandla, balibikela oko zingako izinto awazenzayo uThixo enabo, nokokuba iintlanga wazivulela ucango lokholo.

14:28b.ACT.014.028 Balibala ke khona apho ixesha elingelincinane, ndawonye nabafundi.

15

15:1b.ACT.015.001 Kwehla abathile bevela kwelakwaYuda, babafundisa abazalwana, besithi, Ukuba anithanga naluswe ngokwesiko likaMoses, aninako ukusindiswa.

15:2b.ACT.015.002 Kuthe ngoko, kwakubon’ ukuba uPawulos noBharnabhas baba nempikiswano nembuzwano engencinane nabo, kwagqitywa kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo.

15:3b.ACT.015.003 Bathi ke ngoko, bephelekelelwe libandla, balityhutyha elaseFenike nelaseSamariya, bexela ukuguquka kwazo iintlanga; babanga uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana.

15:4b.ACT.015.004 Befikile ke eYerusalem, bamkelwa libandla nangabapostile nangamadoda amakhulu; kananjalo babika ukuba zinkulu kwazo izinto awazenzayo uThixo enabo.

15:5b.ACT.015.005 Kwasuka kwema ke abathile abakholiweyo behlelo labaFarisi, besithi, Bamelwe kukuba baluke, nokuthi bathethelwe ngelithi, mabawugcine umthetho kaMoses.

15:6b.ACT.015.006 Bahlanganisana ke abapostile namadoda amakhulu, ukuba bayikhangele loo ndawo.

15:7b.ACT.015.007 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi kakuhle nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngawo umlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo, zikholwe.

15:8b.ACT.015.008 UThixo, umazi-ntliziyo, wazingqinela, ezinika uMoya oyiNgcwele kwanjengathi;

15:9b.ACT.015.009 akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambulule iintliziyo zazo ngokholo.

15:10b.ACT.015.010 Phofu ke nimlingelani na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni yabafundi, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwanoobawo bethu?

15:11b.ACT.015.011 Ke ngalo ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, siyakholwa ukuba sosindiswa kwangohlobo ezisindiswa ngalo nazo.

15:12b.ACT.015.012 Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzayo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo.

15:13b.ACT.015.013 Ke kaloku, emva kokuthi cwaka kwabo, waphendula uYakobi esithi, Madoda, bazalwana, ndiphulaphuleni.

15:14b.ACT.015.014 USimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama.

15:15b.ACT.015.015 Ayavumelana nako oko amazwi abaprofeti, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,

15:16b.ACT.015.016 Emveni koku ndiya kubuya, Ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide, Amanxuwa awo ndibuye ndiwakhe kanjalo, Ndibuye ndiwumise;

15:17b.ACT.015.017 Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi, Zifune zonke iintlanga ezibizwe ngalo igama lam; Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto.

15:18b.ACT.015.018 Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe.

15:19b.ACT.015.019 Kungoko mna ndigqiba kwelithi, masingabakhathazi abo beentlanga babuyelayo kuThixo;

15:20b.ACT.015.020 kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi.

15:21b.ACT.015.021 Kuba uMoses kwakwizizukulwana zakudala unabamvakalisayo kwimizi ngemizi, eleswa ezindlwini zesikhungu ezi iisabatha ngeesabatha.

15:22b.ACT.015.022 Kwaza kwabonakala kulungile kubapostile nakumadoda amakhulu, ndawonye nalo ibandla liphela, ukuba banyule amadoda kwakubo, bawathume kwa-Antiyokwe ndawonye noPawulos noBharnabhas; angooYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda angabakhokeli kubazalwana.

15:23b.ACT.015.023 Babhala incwadi ngesandla sawo, besithi: Abapostile namadoda amakhulu nabazalwana bayabulisa kubo abazalwana basezintlangeni, abakwa-Antiyokwe nakwelaseSiriya nakwelaseKiliki.

15:24b.ACT.015.024 Ekubeni ke sivile ukuba abathile kuthi baphuma baya banikhathaza ngamazwi, beyikhukulisa imiphefumlo yenu, besithi, makwalukwe, kugcinwe umthetho, esingabayalelanga wona:

15:25b.ACT.015.025 kwabonakala kulungile kuthi, simxhelo mnye, ukuba sinyule amadoda ukuba siwathume kuni, ndawonye neentanda zethu, uBharnabhas noPawulos,

15:26b.ACT.015.026 abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu.

15:27b.ACT.015.027 Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo.

15:28b.ACT.015.028 Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungabekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo:

15:29b.ACT.015.029 zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.

15:30b.ACT.015.030 Bathe ke ngoko, bakunduluka, beza kwa-Antiyokwe; bawuhlanganisa umhlambi wabazalwana, bayinikela incwadi leyo.

15:31b.ACT.015.031 Beyilesile ke bona, baluvuyela uthuthuzelo olu.

15:32b.ACT.015.032 Ke kaloku ooYuda noSilas, kuba bengabaprofeti nabo, babathuthuzela abazalwana ngokuthetha okukhulu, babomeleza.

15:33b.ACT.015.033 Bakuba ke benze ixesha, banduluka bexolile kubazalwana, baya kubapostile.

15:34b.ACT.015.034 Kodwa kuSilas kwabonakala kulungile ukuba akhe ahlale khona.

15:35b.ACT.015.035 Balibala ke ooPawulos noBharnabhas kwa-Antiyokwe, befundisa, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi leNkosi, kwanabanye abaninzi.

15:36b.ACT.015.036 Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wathi uPawulos kuBharnabhas, Makhe sibuye siye kuvelela abazalwana bethu, kuyo yonke imizi ngemizi esalazisayo kuyo ilizwi leNkosi, sibone ukuba banjani na.

15:37b.ACT.015.037 Ke kaloku uBharnabhas wangxamela ukuba bathabathe nabo uYohane, ekuthiwa nguMarko;

15:38b.ACT.015.038 kodwa uPawulos wathi akufanelekile ukumthabatha, ahambe nabo, lowo wemkayo kubo kwelasePamfili, akaya nabo emsebenzini.

15:39b.ACT.015.039 Kwabakho ngoko amazwi abukhali phakathi kwabo, ngokokude bahlukane; athi uBharnabhas amthabathe uMarko, anduluke ngomkhombe aye eSipro;

15:40b.ACT.015.040 kodwa uPawulos wanyula uSilas, wemka, enikelwe kubabalo lukaThixo ngabazalwana.

15:41b.ACT.015.041 Walityhutyha ke elaseSiriya nelaseKiliki, ewomeleza amabandla.

16

16:1b.ACT.016.001 Ke kaloku wafika eDerbhe naseListra. Kwabonakala kukho mfundi uthile apho, ugama linguTimoti, unyana wentokazi ethile engumYudakazi okholiweyo, kodwa uyise engumGrike;

16:2b.ACT.016.002 obengqinelwe kakuhle ngabazalwana baseListra naseIkoniyo.

16:3b.ACT.016.003 Lowo uPawulos wathanda ukuba aphume naye; wamthabatha wamalusa, ngenxa yamaYuda abekwezo ndawo; kuba bonke babemazi uyise ukuba ungumGrike.

16:4b.ACT.016.004 Ke kaloku, xa babeyihamba imizi, babanikela imimiselo ukuba bayigcine, leyo ibimiswe ngabapostile namadoda amakhulu aseYerusalem.

16:5b.ACT.016.005 Ayezimaseka ke ngoko amabandla elukholweni, esanda ngenani imihla ngemihla.

16:6b.ACT.016.006 Ke kaloku, bakulityhutyha ilizwe laseFrigi nelaseGalati, balelwa nguMoya oyiNgcwele ukulithetha ilizwi kwelaseAsiya.

16:7b.ACT.016.007 Befikile kwelaseMisi, balinga ukuya nakwelaseBhitini, kodwa akabavumelanga uMoya lowo;

16:8b.ACT.016.008 badlula ke kwelaseMisi, behla baya eTrowa.

16:9b.ACT.016.009 Kwabonakala umbono kuPawulos ebusuku. Kwema ndoda ithile yelaseMakedoni, imbongoza isithi, Wela uze kwelaseMakedoni, usisize.

16:10b.ACT.016.010 Ke kaloku, akuwubona umbono lowo, safuna thina kwaoko ukuphuma siye kwelaseMakedoni, sigqibe kwelithi, iNkosi isibizele ukuba sibashumayeze iindaba ezilungileyo.

16:11b.ACT.016.011 Sindulukile ngoko ngomkhombe eTrowa, sathi ngqo ukuya eSamotraki, sathi ngengomso seza eNeyapoli;

16:12b.ACT.016.012 ukusuka apho, seza eFilipi, owona mzi wokuqala wecala elo lilelaseMakedoni, uyikoloni. Salibala ke kuloo mzi imihla ethile.

16:13b.ACT.016.013 Sathi ngomhla wesabatha, saphuma saya ngaphandle komzi ngasemlanjeni, apho umthandazo ubusakwenziwa khona; sahlala phantsi, samana sithetha kubafazi ababebuthelene khona.

16:14b.ACT.016.014 Kwaye kuphulaphula intokazi ethile egama linguLidiya, umthengisi weengubo ezibomvu, womzi weTiyatira, emhlonelayo uThixo, entliziyo yayivulayo iNkosi ukuba izinyamekele izinto ezazithethwa nguPawulos.

16:15b.ACT.016.015 Ke kaloku, yakuba ibhaptiziwe nendlu yayo, yasibongoza isithi, Ukuba nithi ndikholiwe eNkosini, ngenani endlwini yam, nihlale. Yasizama.

16:16b.ACT.016.016 Ke kaloku kwathi, kwakubon’ ukuba siyaya endaweni yokuthandaza, sahlangatyezwa sisicakazana esithile, sinomoya wemilozi; sona besizizuzisa iinkosi zaso inzuzo enkulu ngokuvumisa.

16:17b.ACT.016.017 Sona eso sithene mbende noPawulos nathi, samana sidanduluka sisithi, Aba bantu bangabakhonzi bakaThixo Osenyangweni, bona basazisayo indlela yosindiso.

16:18b.ACT.016.018 Oko ke sakwenza sona imihla emininzi. Ebindekile ke uPawulos, wathi guququ, wathi kuwo umoya, Ndiyakuthethela egameni likaYesu Kristu ukuba uphume kuso. Waphuma ke kwangelo lixa.

16:19b.ACT.016.019 Ke kaloku, zakubona iinkosi zaso ukuba liphumile ithemba lenzuzo yazo, zababamba ooPawulos noSilas, zabarholela endaweni yembutho, kubaphathi:

16:20b.ACT.016.020 zabazisa kubo abathetheli, zathi, Aba bantu bayawukhathaza kakhulu umzi wethu, bengamaYuda;

16:21b.ACT.016.021 basifundisa amasiko ekungavumelekileyo ukuba siwamkele, nokuba siwenze, singamaRoma.

16:22b.ACT.016.022 Isihlwele sabahlanganyela; nabathetheli bazithi qwengeqwenge iingubo zabo, bathi mababethwe ngeentswazi.

16:23b.ACT.016.023 Bathi, bakuba bebabethe imivumbo emininzi, babaphosa entolongweni, bamthethela umgcini wababanjwa ukuba abagcine ngokunqabileyo;

16:24b.ACT.016.024 owathi, amkele umyalelo onjalo, wabaphosa kwengaphakathi intolongo, waziqinisa iinyawo zabo emithini.

16:25b.ACT.016.025 Ke kaloku, malunga phakathi kobusuku, ooPawulos noSilas babethandaza, bevuma elokudumisa uThixo; babephulaphula ke ababanjwa.

16:26b.ACT.016.026 Kwabakho ke ngequbuliso unyikimo olukhulu lomhlaba, ngokokude zizanyazanyiswe iziseko zentolongo; zavuleka kwaoko iingcango zonke, athukululeka amakhamandela abo bonke.

16:27b.ACT.016.027 Ethe tyithi ke ebuthongweni umgcini wababanjwa, ebona iingcango zentolongo zivulekile, warhola ikrele, eza kuzibulala, eba ababanjwa babalekile.

16:28b.ACT.016.028 UPawulos wabiza ke ngezwi elikhulu wathi, Ungazenzakalisi; kuba sikho sonke apha.

16:29b.ACT.016.029 Ebize ke izibane, watsiba phakathi, waza egubha, wawa phantsi phambi koPawulos noSilas.

16:30b.ACT.016.030 Wabazisa phandle, wathi, Zinkosi, ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe?

16:31b.ACT.016.031 Bathi ke bona, Kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho.

16:32b.ACT.016.032 Balithetha kuye ilizwi leNkosi, nakubo bonke ababesendlwini yakhe.

16:33b.ACT.016.033 Wabathabatha ngelo lixa lobusuku, wayihlamba imivumbo yabo; wabhaptizwa yena kwalapho, nabo bonke abakhe.

16:34b.ACT.016.034 Kananjalo, ebanyuse wabasa endlwini yakhe, wabeka ukudla phambi kwabo, wagcoba nendlu yakhe yonke, kuba ekholwa kuThixo.

16:35b.ACT.016.035 Kwakusa, abathetheli bathuma amadindala, besithi, Bakhulule abo bantu.

16:36b.ACT.016.036 Uwaxelile ke umgcini wababanjwa la mazwi kuPawulos, wathi, Abathetheli bathumele ukuba nikhululwe; ke ngoko phumani, nihambe ngoxolo.

16:37b.ACT.016.037 Uthe ke uPawulos kuwo, Basityabule ekuhleni singagwetywanga, sibantu bangamaRoma; basiphosa entolongweni; ngoku basikhupha ngasese na? Nakanye; mabeze bona ngokwabo, basikhuphe.

16:38b.ACT.016.038 Awaxela ke la mazwi amadindala kubathetheli; boyika, bakuva ukuba bangamaRoma.

16:39b.ACT.016.039 Beza bababongoza, babakhupha, babacela ukuba baphume kuwo umzi.

16:40b.ACT.016.040 Bephumile ke entolongweni, baya kungena kwaLidiya; bathi, bebabonile abazalwana, babayala, bemka.

17

17:1b.ACT.017.001 Ke kaloku, bakuba beyihambile iAmfipoli neApoloni, beza eTesalonika, apho yayikhona indlu yesikhungu yamaYuda.

17:2b.ACT.017.002 Ngokwesiko ke likaPawulos wangena kuwo; waye iisabatha ezintathu exoxa nawo, ethabatha ezibhalweni,

17:3b.ACT.017.003 etyhila, ebeka phambi kwawo ukuba uKristu ubemelwe kukuva ubunzima, aze avuke kwabafileyo; nokuthi, Nguye ke uKristu, lo Yesu ndinazisa yena mna.

17:4b.ACT.017.004 Inxenye kuwo yoyiseka, yazibandakanya noPawulos noSilas, kwanenkitha enkulu yamaGrike amhlonelayo uThixo; nakubafazi abaziintloko ababa mbalwa.

17:5b.ACT.017.005 Ke kaloku amaYuda angoyisekileyo, enomsindo, azithabathela amadoda athile angendawo, angamahilihili, enza ibubu, awuphithizelisa umzi, ayifikela nendlu kaYason, efuna ukubarholela eluntwini.

17:6b.ACT.017.006 Akuba engabafumananga ke, amrholela uYason nabazalwana abathile kubaphathi bomzi, ebhomboloza esithi, Aba baliqungaqungileyo elimiweyo, bona bafikile nalapha;

17:7b.ACT.017.007 athe uYason wabamkela ngobubele; baye bonke aba besenza okuchasene nemimiselo kaKesare, besithi, Kukho kumkani wumbi unguYesu.

17:8b.ACT.017.008 Asikhathaza ke isihlwele nabaphathi bomzi, bakuziva ezi zinto.

17:9b.ACT.017.009 Bethabathe isibambiso kuYason nakwabanye, babakhulula.

17:10b.ACT.017.010 Ke kaloku bathi abazalwana kwaoko bamndulula uPawulos noSilas ngobusuku, ukuba baye eBhereya; abathi bona bakufika, baya endlwini yesikhungu yamaYuda.

17:11b.ACT.017.011 La ke aye enobuntu kunawaseTesalonika; la wona alamkela ilizwi ngentumekelelo yonke, ezincina izibhalo imihla ngemihla, ukuba zingaba zinjalo na ezi zinto.

17:12b.ACT.017.012 Kwakholwa ke ngoko into eninzi kuwo, nakumaGrikekazi abekekileyo, nakumadoda, ababa mbalwa.

17:13b.ACT.017.013 Akuqonda ke awaseTesalonika amaYuda, ukuba ilizwi likaThixo lazisiwe nguPawulos naseBhereya, eza azizamazamisa nalapho izihlwele.

17:14b.ACT.017.014 Bandula ke kwaoko abazalwana, bamsusa uPawulos ukuba abheke ngaselwandle; kwasala uSilas kwanoTimoti khona.

17:15b.ACT.017.015 Bathe ke bona abamkhaphayo uPawulos, bamsa eAtene; bakuba bamkele umthetho oya kooSilas noTimoti, wokuba beze kuye kwakamsinya, bemka.

17:16b.ACT.017.016 Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos ubalindile eAtene, wacaphuka, akuwubona umzi uzizithixo kuphela.

17:17b.ACT.017.017 Wayexoxa ke ngoko endlwini yesikhungu namaYuda, nabamhlonelayo uThixo; nasendaweni yembutho imihla ngemihla, nabasukuba bekhona.

17:18b.ACT.017.018 Ke kaloku izithanda-bulumko ezithile zamaEpikure nezamaStoyike zamhlanganyela; yayisithi inxenye, Azi lifuna ukuthini na eli pholopholo? Abanye ke bathi, Ngathi ngumazisi wezithixo zasemzini; ngokuba wayebashumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu, novuko lwabafileyo.

17:19b.ACT.017.019 Bamthabatha ke bamsa eAreyopago, besithi, Singakhe siyive na le mfundiso intsha ithethwa nguwe, ukuba iyini na?

17:20b.ACT.017.020 Kuba uzisa izinto ezithile zasemzini ezindlebeni zethu; singa singazi ngoko, ukuba zingaba zifuna ukuba yintoni na ezi zinto.

17:21b.ACT.017.021 Ke kaloku abaseAtene bonke, nabasemzini abangabahambi, babengazilibazisi nganto yimbi, ngaphandle kokuxela nokuva olona daba lutsha.

17:22b.ACT.017.022 Wema ke uPawulos esazulwini seAreyopago, wathi: Madoda aseAtene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nincamisile ukuhlonela izithixo.

17:23b.ACT.017.023 Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, kongaziwayo uThixo. Lowo ngoko nimhlonelayo ningamazi, ndinazisa yena mna.

17:24b.ACT.017.024 UThixo yena, owenza ihlabathi neento zonke ezikulo, lowo, eyiNkosi nje yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla.

17:25b.ACT.017.025 Kananjalo akaphiliswa zizandla zabantu, ngokoswele into, inguye nje obanika bonke ubomi, nomphefumlo, nazo zonke izinto.

17:26b.ACT.017.026 Kanjalo wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha abekwe ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo;

17:27b.ACT.017.027 ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambe bangaphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye.

17:28b.ACT.017.028 Kuba kuyo sihleli, siyashukuma, sikho; njengokuba neembongi ezithile zenu zitshilo ukuthi, Kuba nathi siyinzala yakhe.

17:29b.ACT.017.029 Siyinzala kaThixo nje ke, akusifanele ukuba sibe ubuthixo obu bufana negolide nesilivere nelitye, into eqingqwe ngobungcibi nangengcinga yomntu.

17:30b.ACT.017.030 Loo maxesha ke ngoko okungazi, uThixo wawayeka ngabomi; kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke;

17:31b.ACT.017.031 ngokokuba emise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo ngobulungisa, ngendoda awayimisayo, ebanike bonke ukholo ngokuyivusa kwabafileyo.

17:32b.ACT.017.032 Ke kaloku, bakuva ngokuvuka kwabafileyo, inxenye yayihlekisa ngaloo nto, abanye bathi, Sobuya sikuve wena ngale nto.

17:33b.ACT.017.033 Waphuma njalo ke uPawulos phakathi kwabo.

17:34b.ACT.017.034 Kodwa amadoda athile anamathele kuye, akholwa, anoDiyonisiyo waseAreyopago, nomfazi ogama linguDamari, nabanye ndawonye nabo.

18

18:1b.ACT.018.001 Ke kaloku, emva kwezi zinto, wahlukana uPawulos neAtene, weza eKorinte.

18:2b.ACT.018.002 Wafumana umYuda othile wasePonto ngokuzalwa, ogama linguAkwila, esandula ukuvela eItali, noPrisila umkakhe, weza kubo (ngenxa yokuba uKlawudiyo ebemise ukuthi, makahlukane neRoma onke amaYuda).

18:3b.ACT.018.003 Kuthe ke, ngenxa yokuba belilinye ishishini labo, waselehlala nabo esebenza; kuba babengabenzi beentente, ishishini labo.

18:4b.ACT.018.004 Wayexoxa ke endlwini yesikhungu iisabatha ngeesabatha zonke, ezamela ukweyisa amaYuda namaGrike.

18:5b.ACT.018.005 Ke kaloku, bakuhla bevela kwelaseMakedoni ooSilas noTimoti, uPawulos waxinwa ngumoya, waqononondisa kumaYuda ukuba uYesu lo nguye uKristu.

18:6b.ACT.018.006 Uthe ke, akuchasa, akunyelisa, wavuthulula iingubo zakhe, wathi kuwo, Igazi lenu malibe phezu kwentloko yenu; ndihlambulukile mna; kuthabathela kweli xesha, ndiya kuya kwiintlanga.

18:7b.ACT.018.007 Esuka khona, weza endlwini yothile ogama linguYusto, omhlonelayo uThixo, ondlu yayamene nendlu yesikhungu.

18:8b.ACT.018.008 Uthe ke uKrispo, umphathi wendlu yesikhungu, wakholwa yiNkosi, nendlu yakhe iphela; nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa.

18:9b.ACT.018.009 Yathi ke iNkosi ngombono ebusuku kuPawulos, Musa ukoyika, thetha ungathi tu;

18:10b.ACT.018.010 ngokokuba mna ndinawe, kanjalo akukho namnye uya kukusa sandla, akuphathe kakubi; ngokokuba ndinabantu abaninzi kulo mzi.

18:11b.ACT.018.011 Wahlala khona ke umnyaka oneenyanga ezintandathu, efundisa ilizwi likaThixo phakathi kwabo.

18:12b.ACT.018.012 Ke kaloku, akubon’ ukuba uGaliyo ulibamba kwelaseAkaya, amwela uPawulos amaYuda ngamxhelo mnye, amsa esihlalweni sokugweba,

18:13b.ACT.018.013 esithi, Lo uzamela ukweyisa abantu ukuba bamhlonele uThixo ngokunxamnye nomthetho.

18:14b.ACT.018.014 Uthe ke xa uPawulos aza kuvula umlomo, wathi uGaliyo kumaYuda, Ukuba ke ngoko ibiyinto yentswela-bulungisa, nokuba ibiyeyobutshijolo obungendawo, maYuda, ngekufanelekile ukuba ndininyamezele;

18:15b.ACT.018.015 kodwa ukuba yimbuzwano ngelizwi, namagama, nomthetho ongowenu, zikhangeleleni nina; kuba mna andingi ndingaba ngumgwebi wezo zinto.

18:16b.ACT.018.016 Wawagxotha esihlalweni sokugweba.

18:17b.ACT.018.017 Ambamba ke onke amaGrike uSostene, umphathi wendlu yesikhungu, ambetha phambi kwesihlalo sokugweba. Akwabakho nanye yezo zinto ayikhathalelayo uGaliyo.

18:18b.ACT.018.018 Ke kaloku uPawulos ukhe wahlala imihla eyaneleyo. Waza, ebabulisile abazalwana, wemka ngomkhombe waya kwelaseSiriya, enoPrisila noAkwila; eyichebile intloko eKenkreya, kuba waye enesibambiso.

18:19b.ACT.018.019 Wehla ke wafika e-Efese, wabashiya bona apho; ke yena wangena endlwini yesikhungu, waxoxa namaYuda.

18:20b.ACT.018.020 Uthe ke, akumcela ukuba akhe ahlale umzuzu kuwo, akavuma;

18:21b.ACT.018.021 wawabulisa ke esithi, Nokuba kutheni, ndimelwe kukuwenzela eYerusalem umthendeleko ozayo; kodwa ndobuya ndize kuni, ukuba uThixo uyavuma. Waza wemka ngomkhombe e-Efese.

18:22b.ACT.018.022 Uthe, ehle weza eKesareya, wenyuka walibulisa ibandla, wehla waya kwa-Antiyokwe.

18:23b.ACT.018.023 Enze ixesha elithile khona, wemka, walityhutyha ilizwe laseGalati, nelaseFrigi, ebomeleza bonke abafundi.

18:24b.ACT.018.024 Ke kaloku wathi umYuda othile, ogama linguApolo, wakwa-Alesandire ngokuzalwa, umfo oliciko, wehla waya e-Efese, enobunkunkqele ezibhalweni.

18:25b.ACT.018.025 Lowo ke wayeyifundisiwe ngomlomo indlela yeNkosi; waza evutha ngumoya wathetha, wafundisa ngokucokisekileyo izinto ezingayo iNkosi, esazi kakuhle ubhaptizo lukaYohane lodwa.

18:26b.ACT.018.026 Yena kanjalo waqala ukuthetha ngokungafihlisiyo endlwini yesikhungu. Bathe ke bakumva ooAkwila noPrisila, bamthabathela kubo, bamtyhilela ngokucokisekileyo ngakumbi indlela kaThixo.

18:27b.ACT.018.027 Ke kaloku, akubon’ ukuba unga angadlula aye kwelaseAkaya, abazalwana babhala bebayala abafundi ukuba bamamkele; owathi akufika, wabanceda kakhulu abakholiweyo ngalo ubabalo;

18:28b.ACT.018.028 kuba waweyisa, wawancamisa ekuhleni amaYuda, ebonakalalisa ngazo izibhalo ukuba uYesu lo unguye uKristu.

19

19:1b.ACT.019.001 Ke kaloku kwathi, xa uApolo aseKorinte, uPawulos, ewatyhutyhile amacala asentla, weza e-Efese;

19:2b.ACT.019.002 wafumana bafundi bathile, wathi kubo, UMoya oyiNgcwele namamkela na, nakholwayo nje? Bathi ke bona kuye, Asizanga sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele.

19:3b.ACT.019.003 Wathi kubo, Nanibhaptizelwe enini na phofu? Bathe ke bona, Elubhaptizweni lukaYohane.

19:4b.ACT.019.004 Wathi ke uPawulos, UYohane okunene wabhaptiza ubhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini, mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi, kuKristu Yesu.

19:5b.ACT.019.005 Bevile ke, babhaptizelwa egameni leNkosi uYesu.

19:6b.ACT.019.006 Uthe uPawulos akubeka izandla phezu kwabo, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo, baye bethetha ngeelwimi, beprofeta.

19:7b.ACT.019.007 Aye ke amadoda lawo ewonke engathi alishumi elinamabini.

19:8b.ACT.019.008 Ke kaloku, wangena endlwini yesikhungu, wathetha ngokungafihlisiyo iinyanga zantathu, exoxa nabantu, ebeyisela kwizinto ezingabo ubukumkani bukaThixo.

19:9b.ACT.019.009 Ke bakuba abathile belukhuni, bengaphulaphuli, bethetha okubi ngayo iNdlela leyo phambi komhlambi, wesuka kubo, wabahlula abafundi, exoxa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano.

19:10b.ACT.019.010 Oku ke kwenzeka iminyaka emibini, ngokokude bonke abemiyo kwelaseAsiya balive ilizwi leNkosi uYesu, amaYuda kwanamaGrike.

19:11b.ACT.019.011 Waye noThixo esenze ngezandla zikaPawulos imisebenzi yamandla engahlali isihla;

19:12b.ACT.019.012 ngokokude kusiwe nakwimilwelwe iiqhiya nemibhinqo, ivela emzimbeni wakhe, zisuke kubo izifo, bathi noomoya abakhohlakeleyo baphume kubo.

19:13b.ACT.019.013 Ke kaloku bathi abathile bakumaYuda abhadulayo, angabafungisi, bazamela ukulibiza igama leNkosi uYesu phezu kwabanoomoya abakhohlakeleyo, besithi, Sinifungisa uYesu lowo uvakaliswayo nguPawulos.

19:14b.ACT.019.014 Kwaye kukho ke nyana bathile basixhenxe bakaSkeva, umYuda, umbingeleli omkhulu, ababekwenza oko.

19:15b.ACT.019.015 Waphendula ke umoya okhohlakeleyo, wathi. UYesu ndiyamazi, noPawulos ndiyamazi kakuhle; ke nina ningoobani na?

19:16b.ACT.019.016 Wesuka umntu obukuye umoya okhohlakeleyo, wabatsibela, wabagagamela wabeyisa, ngokokude babaleke baphume kuloo ndlu bengxwelerhiwe, beze.

19:17b.ACT.019.017 Kwathi ke oko kwazeka kuwo onke amaYuda, kwanakumaGrike amiyo e-Efese; angenwa kukoyika onke, lenziwa likhulu igama leNkosi uYesu.

19:18b.ACT.019.018 Yaye nento eninzi yabakholiweyo isiza, izivuma izixela izenzo zabo.

19:19b.ACT.019.019 Yathi ke nento eyaneleyo yabasebenza izenzo zobugqi, yazizisa ndaweni-nye iincwadi zayo, bawayazitshisa phambi kwabo bonke; bawabala amaxabiso azo, bafumana engamawaka amashumi mahlanu esilivere.

19:20b.ACT.019.020 Lenjenjalo ke ilizwi leNkosi ukwanda ngamandla nokweyisa.

19:21b.ACT.019.021 Ke kaloku, zakuzaliseka ezi zinto, wamisa emoyeni wakhe uPawulos ukuba athi, elityhutyhile elaseMakedoni nelaseAkaya, aye eYerusalem, esithi, Emveni kokuba ndithe ndakhona, ndimelwe kukuba ndibone neRoma.

19:22b.ACT.019.022 Wathuma ke kwelaseMakedoni bababini kwabamlungiselelayo, uTimoti noErasto; yena ke wakha walibala umzuzu kwelaseAsiya.

19:23b.ACT.019.023 Ke kaloku kwabakho ngelo xesha inkathazeko engencinane ngayo iNdlela le.

19:24b.ACT.019.024 Kuba uthile, ogama linguDemetriyo, umkhandi wesilivere, obesenza iitempile zesilivere zika-Artemis, wayezizuzisa iingcibi inzuzo engencinane.

19:25b.ACT.019.025 Waziqukela ndawonye, kwanabasebenzi bezinto ezinjalo, wathi, Madoda, niyazi kakuhle ukuba buphuma kule nzuzo ubutyebi bethu;

19:26b.ACT.019.026 kananjalo niyabona, niyeva, ukuba akuse-Efese kodwa, kuphantse ukuba kulo lonke elaseAsiya, athe lo Pawulos waphambukisa isihlwele esaneleyo, ngokusoyisa ngamazwi athi, asingoothixo abo benziwa ngesandla.

19:27b.ACT.019.027 Asisiso ke esi sabelo sethu sodwa esisichenge sokudelwa; kwanetempile yothixokazi omkhulu uArtemis iza kubalelwa ekuthini yinto engento, butshabalale ke nobungangamela bakhe, ohlonelwa lelaseAsiya liphela nelimiweyo.

19:28b.ACT.019.028 Bakukuva ke oko, bazala ngumsindo, bankqangaza, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese!

19:29b.ACT.019.029 Wazala umzi uphela sisidubedube; besuka indulumbane ngamxhelo mnye endaweni yokubonela, bamthi hlasi uGayo noAristarko, abelaseMakedoni, ababehamba noPawulos.

19:30b.ACT.019.030 Uthe ke uPawulos, enga angangena entlanganisweni yabantu, abamvumela abafundi.

19:31b.ACT.019.031 Abathile ke bakubaphathi belaseAsiya, benobuhlobo kuye, bathumela kuye, bambongoza ukuba angazinikeli endaweni yokubonela.

19:32b.ACT.019.032 Abanye ke ngoko babenkqangaza enye into, abanye yimbi, kuba ibandla labe lidubadubekile; baye abaninzi bengazi ukuba babuthelene ngenxa yantoni na.

19:33b.ACT.019.033 Bamrhola ke esihlweleni uAlesandire, akubon’ ukuba amaYuda amtyhalela phambili; uwangawangisile ke uAlesandire ngesandla, wafuna ukuziphendulela eluntwini.

19:34b.ACT.019.034 Kodwa bakuqonda ukuba ungumYuda, benza inzwinini enye bonke bephela, benkqangaza umzuzu omaxa mabini, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese!

19:35b.ACT.019.035 Esizolisile ke umbhali isihlwele, uthe, Madoda ase-Efese, kanene nguwuphi na umntu ongaziyo, ukuba umzi wase-Efese ungumgcini-tempile wothixokazi omkhulu uArtemis, nowomfanekiselo owawa kuZeyus.

19:36b.ACT.019.036 Zingenakuphikwa nje ke ezo zinto, nimelwe kukuthi nizole, ningenzi nanye into ngobutyhuthu-tyhuthu,

19:37b.ACT.019.037 Kuba niwazise apha la madoda, engebaphangi batempile, nabanyelisi bothixokazi wenu.

19:38b.ACT.019.038 Ukuba ke ngoko uDemetriyo neengcibi ezinaye banendawo emntwini, zikho iimini zamatyala, akho namabamba; mabamangalelane.

19:39b.ACT.019.039 Ke ukuba nifuna into nganto zimbi, yoconjululwa kwesesikweni intlanganiso.

19:40b.ACT.019.040 Kuba sizizichenge zokumangalelwa ngesaqunge sanamhla, kungekho nasinye isizathu nje, esingaba nako ngaso ukwenza ilizwi ngale mbuthumbuthu.

19:41b.ACT.019.041 Akutsho, wayindulula intlanganiso.

20

20:1b.ACT.020.001 Ke kaloku, emva kokuphela kwesiphithiphithi eso, uPawulos wababizela kuye abafundi, wababulisa, waphuma waya kwelaseMakedoni.

20:2b.ACT.020.002 Ewatyhutyhile ke loo macala, ebayalile ngokuthetha okukhulu, weza kwelamaGrike.

20:3b.ACT.020.003 Wenza apho iinyanga zantathu. Uthe ke, kwakwenziwa iyelenqe ngaye ngamaYuda, xa aza kuya ngomkhombe kwelaseSiriya, wagqiba kwelokuba acande kwelaseMakedoni ngokubuya.

20:4b.ACT.020.004 Waphelekelelwa ke, kwada kweza kwelaseAsiya, nguSopatro waseBhereya; kumaTesalonika ke yanguAristarko noSekundo; noGayo waseDerbhe, noTimoti; kwabelaseAsiya yanguTikiko noTrofimo;

20:5b.ACT.020.005 abo basandulela, basilinda eTrowa.

20:6b.ACT.020.006 Semka ke thina ngomkhombe eFilipi, emva kwemihla yezonka ezingenagwele, seza kubo eTrowa ngeentsuku ezintlanu; salibala khona iintsuku zasixhenxe.

20:7b.ACT.020.007 Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, bakubon’ ukuba abafundi bahlanganisene ukuba baqhekeze isonka, uPawulos wayexoxa nabo, eza kumka ngengomso; wayolula intetho yakhe kwada kwaphakathi kobusuku.

20:8b.ACT.020.008 Zaye ke izibane zanele egumbini eliphezulu, apho babehlanganisene khona.

20:9b.ACT.020.009 Kwakuhleli ke efestileni ndodana ithile ingama linguYutiko, isindwa bubuthongo obukhulu. Akubon’ ukuba ke uPawulos kukade exoxa, yoyiswa bubuthongo, yawa phantsi isuka kolwesithathu udidi, yafunqulwa ifile.

20:10b.ACT.020.010 Ehlile ke uPawulos, waziphosa phezu kwayo; eyiwolile wathi, Musani ukwenza isiphithiphithi; kuba umphefumlo wayo ukuyo.

20:11b.ACT.020.011 Wenyuka ke, waqhekeza isonka, wadla; kananjalo waxoxa ngokwaneleyo kwada kwasa, wemka njalo.

20:12b.ACT.020.012 Bamzisa ke umfana lowo ehleli, bathuthuzeleka ngokungenamlinganiselo.

20:13b.ACT.020.013 Ke kaloku thina sandulela saya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo.

20:14b.ACT.020.014 Sithe ke, akuhlangana nathi eAso, samthabatha seza eMitilene.

20:15b.ACT.020.015 Sesuka apho ngomkhombe, ngengomso safika malungana neKiyo; sathi ke ngengomsomnye sagaleleka eSamo, sahlala eTrogiliyo; ngolandelayo seza eMileto.

20:16b.ACT.020.016 Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste eYerusalem.

20:17b.ACT.020.017 Ke kaloku eMileto apho wathumela e-Efese, wawabizela khona amadoda amakhulu alo ibandla.

20:18b.ACT.020.018 Akufika ke kuye, wathi kuwo: Niyazi kakuhle nina, kususela kwimini yokuqala endathi qatha ngayo kwelaseAsiya, ukuba ndathini na ukuhlala kwam nani lonke ixesha,

20:19b.ACT.020.019 ndikhonza eNkosini, ndinako konke ukuthobeka kwentliziyo, neenyembezi ezininzi, nokulingwa okwandihlelayo ngamayelenqe amaYuda:

20:20b.ACT.020.020 okokuba andinifihlelanga nto, ndanityela onke amalungelo; ndanifundisa ekuhleni nakwizindlu ngezindlu,

20:21b.ACT.020.021 ndiqononondisa kuma Yuda nakumaGrike ukuguqukela kuThixo, nokukholwa kuyo iNkosi yethu, uYesu Kristu.

20:22b.ACT.020.022 Nangoku, yabonani, ndiya mna eYerusalem, ndibotshiwe nguMoya, ndingazazi izinto eziya kundihlela khona;

20:23b.ACT.020.023 ndanele ukwazi ukuba uMoya oyiNgcwele uqononondisa kwimizi ngemizi, esithi ndilindwe ngamakhamandela naziimbandezelo.

20:24b.ACT.020.024 Andikhathalele nanye yezi zinto; kanjalo nobomi bam obu andinqabe nabo, ukuze ndilufeze uhambo lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo eNkosini uYesu, lokuqononondisa iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo.

20:25b.ACT.020.025 Nangoku, yabonani, ndiyazi mna, ukuba nina nonke ndahambayo phakathi kwenu, ndibuvakalisa ubukumkani bukaThixo, anisayi kuba sabubona ubuso bam.

20:26b.ACT.020.026 Kungoko ndingqinayo kuni ngayo le mini yanamhla, ukuba mna ndimsulwa egazini labo bonke; kuba andinifihlelanga nto;

20:27b.ACT.020.027 ndanityela lonke icebo likaThixo.

20:28b.ACT.020.028 Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, awazizuzelayo ngelilelakhe igazi.

20:29b.ACT.020.029 Kuba mna ndiyakwazi oku, ukuba emva kokumka kwam, kuya kungena phakathi kwenu iingcuka ezibawayo, zingawucongi umhlambi.

20:30b.ACT.020.030 Nakuni ngokwenu kuya kuvela amadoda athetha izinto ezigwenxa, ukuba abarhole abafundi emva kwawo.

20:31b.ACT.020.031 Kungoko ndithi, Phaphani, nikhumbula ukuba iminyaka emithathu, ubusuku nemini, andiyekanga ukululeka bonke ngabanye, ndineenyembezi.

20:32b.ACT.020.032 Kungoku, bazalwana, ndiyaniyaleza kuThixo nakwilizwi lobabalo lwakhe, onako ukunakha, aninike ilifa phakathi kwabo bonke abangcwalisiweyo.

20:33b.ACT.020.033 Andinqwenelanga silivere nagolide nangubo kabani.

20:34b.ACT.020.034 Nina ke ngokwenu niyazi ukuba ezi zandla zazisebenzela iintswelo zam, nezababenam.

20:35b.ACT.020.035 Ndanibonisa zonke izinto, ukuba ngokwenjenjalo ukubulaleka nimelwe kukuthi niyisize imilwelwe, nikhumbule namazwi eNkosi uYesu; ngokuba yena wathi, Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.

20:36b.ACT.020.036 Akutsho, waguqa ngamadolo, wathandaza nabo bonke.

20:37b.ACT.020.037 Basitsho ke isililo esikhulu bonke, bawa phezu kwentamo kaPawulos, bamanga kakhulu,

20:38b.ACT.020.038 bebuhlungu kakhulu, ngokukodwa lilizwi alithethileyo lokuthi, abasayi kubuya babubone ubuso bakhe. Bamphelekelela ke, baya emkhombeni.

21

21:1b.ACT.021.001 Ke kaloku kwathi, sakunduluka ngomkhombe, siziqhawule kubo, see ngqo seza eKos; ngomhla olandelayo ke seza eRodo, sesuka apho seza ePatara.

21:2b.ACT.021.002 Sathi, sifumene umkhombe uwelela kwelaseFenike, sangena kuwo sanduluka.

21:3b.ACT.021.003 Sithe sakuthi thu ke eSipro, sayishiya ngasekhohlo, saya ngomkhombe kwelaseSiriya, saphuma eTire; kuba umkhombe ubuya kuyithula apho impahla.

21:4b.ACT.021.004 Sathi sibafumene abafundi, sahlala khona iintsuku zasixhenxe; bona babesithi kuPawulos ngoMoya, makangenyuki aye eYerusalem.

21:5b.ACT.021.005 Ke kaloku sithe, xa sizigqibileyo iintsuku ezo, saphuma sahamba; besiphelekelela bonke, ndawonye nabafazi nabantwana, sada sangaphandle komzi; saguqa ngamadolo elunxwemeni, sathandaza.

21:6b.ACT.021.006 Sathi sibulisene nabo, sangena emkhombeni thina, bona ke babuyela emakhaya.

21:7b.ACT.021.007 Sathi ke thina, sakulufeza uhambo ngomkhombe sivela eTire, safika eTolimayi, sababulisa abazalwana, sahlala nabo usuku lwalunye.

21:8b.ACT.021.008 Ke kaloku ngengomso, thina besinoPawulos, semka seza eKesareya; sangena endlwini kaFilipu, umshumayeli weendaba ezilungileyo, obengowabaya basixhenxe, sahlala kuye.

21:9b.ACT.021.009 Lowo ke wayeneentombi ezine, ziseziintombi, ziprofeta.

21:10b.ACT.021.010 Sakubon’ ukuba ke sihleli khona iintsuku ezininzi, kwehla kwelakwaYuda mprofeti uthile, ugama linguAgabho.

21:11b.ACT.021.011 Wathi akufika kuthi, wathabatha umbhinqo kaPawulos, wazibopha izandla neenyawo, wathi, Utsho ke uMoya oyiNgcwele ukuthi, Indoda ongowayo lo mbhinqo, aya kwenjenje amaYuda ukuyibopha eYerusalem, ayinikele ezandleni zeentlanga.

21:12b.ACT.021.012 Ke kaloku, sakukuva oku, sambongoza thina, kwanabakuloo ndawo, ukuba angenyuki aye eYerusalem.

21:13b.ACT.021.013 Waphendula ke uPawulos, wathi, Nenzani na ukulila niyityumze intliziyo yam? kuba mna ndingalungele kubotshwa kodwa; ndilungele nokufa eYerusalem, ngenxa yegama leNkosi uYesu.

21:14b.ACT.021.014 Akuba ke engoyiseki, sathi cwaka, sisithi, Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.

21:15b.ACT.021.015 Ke kaloku emva kwezo ntsuku, sabopha impahla, senyuka saya eYerusalem.

21:16b.ACT.021.016 Kwahamba ke nathi abathile nakubafundi abavela eKesareya, besisa thina kuMnaso waseSipro, obengumfundi kwakudala, esaba lundwendwe lwakhe.

21:17b.ACT.021.017 Ke kaloku, sakufika eYerusalem, basamkela ngovuyo abazalwana.

21:18b.ACT.021.018 Ngengomso ke, uPawulos wangena kunye nathi kuYakobi; ayekho namadoda amakhulu onke.

21:19b.ACT.021.019 Ubabulisile, wamana ebacacisela zonke ngazinye izinto awazenzayo uThixo phakathi kweentlanga, ngalo ulungiselelo lwakhe.

21:20b.ACT.021.020 Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; abe ke onke ewuzondelele umthetho.

21:21b.ACT.021.021 Atyelwe ke ngawe, ukuba uyawafundisa onke amaYuda aphakathi kweentlanga, ukuba ahlukane noMoses, usithi, makangabalusi abantwana bawo, angahambi ngawo amasiko.

21:22b.ACT.021.022 Kuthiweni na ke? Kakade kuya kuhlanganisana inkitha; kuba aya kuva ukuba ufikile.

21:23b.ACT.021.023 Ngoko yenza le nto sikuxelela yona: kukho kuthi apha amadoda amane, anesibambiso azibophe ngaso;

21:24b.ACT.021.024 wathabathe ke, uzenze nyulu kunye nawo, ube nokudleka ngenxa yawo, ukuze agugule iintloko; bazi bonke ukuba ezo nto bazityelweyo ngawe azilutho, nawe ngokwakho uhambe uwugcinile umthetho.

21:25b.ACT.021.025 Kodwa ngazo iintlanga ezikholiweyo, sabhala sagqiba kwelokuba zingabambi nto injalo; kuphela ibe kukuzigcina entweni ebingelelwe izithixo, nasegazini, nasentweni ekrwitshiweyo, nasembulweni.

21:26b.ACT.021.026 Wandula uPawulos wawathabatha ke amadoda lawo, wathi ngengomso, ezenze nyulu kunye nawo, wangena etempileni, eqondisisa inzaliseko yeentsuku zokwenza nyulu, ude usondezwe umnikelo ngenxa yabo bonke ngabanye.

21:27b.ACT.021.027 Ke kaloku, xa iintsuku ezisixhenxe ezo beziza kuphela, athi amaYuda avela kwelaseAsiya, akumbona etempileni, asidubaduba sonke isihlwele, amsa izandla,

21:28b.ACT.021.028 enkqangaza esithi, Madoda, maSirayeli, sizani. Nanku lo mntu ufundisa bonke ezindaweni zonke okuchasene nabantu, nomthetho, nale ndawo; othe ngaphezu koko wawangenisa amaGrike etempileni, wayenza inqambi le ndawo ingcwele.

21:29b.ACT.021.029 Kuba abebone ngeenxa engaphambili uTrofimo wase-Efese, ndawonye naye phakathi komzi; abeba uPawulos umngenise etempileni.

21:30b.ACT.021.030 Washukuma umzi uphela, babalekela ndawonye abantu; bamthabatha uPawulos, bamrholela ngaphandle kwetempile; zavalwa kwaoko iingcango.

21:31b.ACT.021.031 Ke kaloku, xa babeza kumbulala, lwafika udaba kumthetheli-waka webutho, lokuba iYerusalem iphela idubadubekile;

21:32b.ACT.021.032 owathi kwangelo lixa wathabatha amasoldati nabathetheli-khulu, wabaleka, wehla waya kubo. Bakumbona ke umthetheli-waka namasoldati, bayeka ukumbetha uPawulos.

21:33b.ACT.021.033 Waza wasondela umthetheli-waka, wambamba, wathi makakhonkxwe ngemixokelelwane emibini; wayebuza ukuba angaba ungubani na, nokuthi wenze ntoni na.

21:34b.ACT.021.034 Abanye ke phakathi kwesihlwele babhomboloza enye into, abanye enye. Akuba engenako ke ukuyazi inyaniso ngenxa yesiphithiphithi, wathi makasiwe enqabeni yomkhosi.

21:35b.ACT.021.035 Xeshikweni wafikayo ke kumatye okunyuka, usuke wathwalwa ngamasoldati, ngenxa yamandla esihlwele;

21:36b.ACT.021.036 kuba yayilandela inkitha yabantu, inkqangaza isithi, Msuseni.

21:37b.ACT.021.037 Xa ke wayeza kungeniswa enqabeni yomkhosi, wathi uPawulos kumthetheli-waka, Kuvumelekile na ukuba ndithethe into kuwe? Wathi ke yena, Uyasazi na isiGrike?

21:38b.ACT.021.038 Akunguye na kanene laa mYiputa, wathi phambi kwale mihla wenza isaqunge, wakhukulisela entlango laa madoda angamawaka amane azizigebenga?

21:39b.ACT.021.039 Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumntu ongumYuda waseTarso, umntu okowabo lingumzi ongadume ngako welaseKiliki; ndiyakucela ke, ndivumele ndikhe ndithethe kubo abantu.

21:40b.ACT.021.040 Ke kaloku, akubon’ ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Kwakuthiwa cwaka kakhulu, wadanduluka ngentetho yesiHebhere, esithi:

22

22:1b.ACT.022.001 Madoda, bazalwana, nani bobawo, kuphulaphuleni ukuziphendulela kwam kuni ngoku.

22:2b.ACT.022.002 Bakuva ke ukuba udanduluka ngentetho yesiHebhere kubo, bazola okunye. Waza wathi:

22:3b.ACT.022.003 Mna ndiyindoda engumYuda; ndizalelwe okunene eTarso yelaseKiliki, kodwa ndondlelwe kulo mzi ezinyaweni zikaGamaliyeli; ndiqeqeshwe ngohlobo olucokisekileyo lomthetho woobawo, ndizondelela uThixo, njengokuba ninjalo nani nonke namhlanje.

22:4b.ACT.022.004 Ndingowayitshutshisayo yona le Ndlela, ndada ndesa ekufeni, ndibopha, ndifaka ezintolongweni amadoda kwanabafazi;

22:5b.ACT.022.005 njengokuba nombingeleli omkhulu endingqinela, nayo yonke intlanganiso yamadoda amakhulu; endamkela kubo iincwadi zokuya kubazalwana, ndahambela eDamasko, ndiya kuzisa nababekhona bebotshiwe eYerusalem, ukuze babethwe.

22:6b.ACT.022.006 Ke kaloku kwathi, ndihamba, ndisondela eDamasko, malunga emini enkulu, ngesiquphe ndabanekelwa ngeenxa zonke lukhanyiselo olukhulu luphuma ezulwini.

22:7b.ACT.022.007 Ndawa emhlabeni, ndeva ilizwi lisithi kum, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na?

22:8b.ACT.022.008 Ndaphendula ke mna ndathi, Ungubani na, Nkosi? Yathi kum, Mna ndinguYesu waseNazarete, omtshutshisayo wena.

22:9b.ACT.022.009 Bona ke ababenam balubona okunene ukhanyiselo olo, besuka boyika; kodwa abalivanga ilizwi lalowo wayethetha nam.

22:10b.ACT.022.010 Ndathi ke, Ndithini na, Nkosi? Yathi ke iNkosi kum, Vuka, uye eDamasko; woxelelwa khona ngazo zonke izinto ozimiselweyo ukuba uzenze.

22:11b.ACT.022.011 Ndakuba ke ndingenakondela ngenxa yobuqaqawuli bolo lukhanyiselo, ndarholwa ngesandla ngabo babenam, ndafika eDamasko.

22:12b.ACT.022.012 Ke kaloku, Hananiya uthile, indoda emhlonelayo uThixo ngokomthetho, engqinelwe kakuhle ngawo onke amaYuda amiyo khona,

22:13b.ACT.022.013 weza kum, wema kufuphi, wathi kum, Sawule, mzalwana, buya ubone. Ndaza mna kwangelo lixa ndabheka phezulu kuye.

22:14b.ACT.022.014 Wathi ke yena, UThixo woobawo bethu ukumisile wena ukuba ukwazi ukuthanda kwakhe, umbone lowo uliLungisa, uve ilizwi eliphuma emlonyeni wakhe;

22:15b.ACT.022.015 ngokuba uya kuba lingqina lakhe kubo bonke abantu, lezinto ozibonileyo nozivileyo.

22:16b.ACT.022.016 Nakaloku usalibele yini na? Suk’ ume, ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi.

22:17b.ACT.022.017 Ke kaloku kwathi, ndakuba ndibuyele eYerusalem, ndakubon’ ukuba ndiyathandaza etempileni, ndaba sethongweni;

22:18b.ACT.022.018 ndayibona isithi kum, Ngxama, uphume kamsinya eYerusalem; ngokokuba bengayi kubamkela ubungqina bakho ngam.

22:19b.ACT.022.019 Ndathi mna, Nkosi, bayazi kakuhle bona ukuba mna ndandibafaka entolongweni, ndibatyabula kuzo zonke izindlu zesikhungu abo bakholwayo kuwe;

22:20b.ACT.022.020 naxeshikweni laphalazwayo igazi likaStefano, ingqina lakho, ndaye ndimi kufuphi nam, ndikuthakazela ukusikwa kwakhe, ndizigcinile iingubo zabo babemsika.

22:21b.ACT.022.021 Yathi kum, Hamba; ngokuba mna ndiya kukuthuma kude kwiintlanga.

22:22b.ACT.022.022 Bamphulaphula ke, wada wafika kwelo lizwi, baza baphakamisa izwi labo besithi, Msuseni emhlabeni umntu onje; kuba akufanelekile ukuba adle ubomi.

22:23b.ACT.022.023 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayankqangaza, belahla iingubo zabo, bephosa uthuli esibhakabhakeni,

22:24b.ACT.022.024 wathi umthetheli-waka, makangeniswe enqabeni yomkhosi; wathi makancinwe ngekatsi, ukuze azi ukuba kungathuba lini na ukuba benjenje ukunkqangaza ngaye.

22:25b.ACT.022.025 Ke kaloku, xa bamolulayo ngeentambo, wathi uPawulos kumthetheli-khulu obemi khona, Kuvumelekile na, ukuba nimtyakatye umntu ongumRoma, engagwetywanga nokugwetywa?

22:26b.ACT.022.026 Evile ke umthetheli-khulu, waya wabika kumthetheli-waka, esithi, Yilumkele into oza kuyenza; kuba lo mntu ungumRoma.

22:27b.ACT.022.027 Weza ke umthetheli-waka wathi kuye, Ndixelele, ungumRoma na? Wathi ke yena, Ewe.

22:28b.ACT.022.028 Waphendula umthetheli-waka wathi, Mna ukungeniswa kwam kulo mzi waseRoma, ndakuzuza ngenani elikhulu. Wathi ke uPawulos. Ke mna ndizelwe ndinako.

22:29b.ACT.022.029 Basuka kuye kwaoko ngoko abo babeza kumncina; woyika ke nomthetheli-waka akuqonda ukuba ungumRoma, nangenxa yokuba ebembophile.

22:30b.ACT.022.030 Ke kaloku ngengomso, enga angayazi inyaniso yento amangalelwe ngayo ngamaYuda, wamkhulula ezintanjeni, wathi, mabeze ababingeleli abakhulu, nayo yonke intlanganiso yabo yamatyala; waza wamhlisa uPawulos, wammisa phakathi kwabo.

23

23:1b.ACT.023.001 Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini.

23:2b.ACT.023.002 Ke kaloku umbingeleli omkhulu, uHananiya, wathi kwabo babemi ngakuye, mabambethe emlonyeni.

23:3b.ACT.023.003 Waza wathi uPawulos kuye, Uza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo. Wena uthi uhlalele ukuba uthethe ityala lam ngokomthetho, ubuye waphule umthetho, uthi mandibethwe?

23:4b.ACT.023.004 Bona ke ababemi khona bathi, Uyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo?

23:5b.ACT.023.005 Wathi uPawulos, Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu.

23:6b.ACT.023.006 Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lelabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala esithi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, ndingowomFarisi; ndimangalelwe mna ngalo ithemba nangovuko lwabafileyo.

23:7b.ACT.023.007 Uthe ke akukuthetha oko, kwabakho impambano phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yahlulelana inkitha leyo;

23:8b.ACT.023.008 kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasithunywa sazulu, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo.

23:9b.ACT.023.009 Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe umoya kuye, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo thina.

23:10b.ACT.023.010 Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka, esoyikela ukuba uPawulos angaqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo.

23:11b.ACT.023.011 Ke kaloku ngobo busuku iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa izinto ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma.

23:12b.ACT.023.012 Ke kaloku kwakusa, abathile kumaYuda bathuthelana bazibopha ngesiqalekiso, besithi abayi kudla, abayi kusela nokusela, bade bambulale uPawulos.

23:13b.ACT.023.013 Baye ke bengaphezu kwamashumi omane ababefungele ukuyenza loo nto;

23:14b.ACT.023.014 abathi bona beza kubabingeleli abakhulu nakumadoda amakhulu, bathi, Sizibophile ngesiqalekiso esikhulu, ukuba singafaki nto emlonyeni, side simbulale uPawulos;

23:15b.ACT.023.015 ke ngoku nina bhekisani kumthetheli-waka kunye nentlanganiso yamatyala, ukuba amhlise, eze naye kuni ngomso, ngokungathi niza kuziqiqa ngokukhona kucokisekileyo iindawo ezithethwa ngaye; sibe ke thina, engekasondeli, sesilungiselele ukumbulala.

23:16b.ACT.023.016 Ke kaloku, akukuva unyana wodade boPawulos ukumlalela kwabo, wafika wangena enqabeni yomkhosi, wambikela uPawulos.

23:17b.ACT.023.017 UPawulos ubizele ke kuye omnye wakubathetheli-khulu, wathi, Yisa le ndodana kumthetheli-waka; kuba inento eza kuyibika kuye.

23:18b.ACT.023.018 Uyithabathile ke yena, wayizisa kumthetheli-waka, wathi, UPawulos, umbanjwa undibizele kuye, wacela ukuba ndizise le ndodana kuwe; inento eza kuyithetha kuwe.

23:19b.ACT.023.019 Wayibamba ke ngesandla umthetheli-waka, waya nayo ngasese, wayibuza wathi, Unantoni na oza kuyibika kum?

23:20b.ACT.023.020 Yathi ke, AmaYuda avumelene ukukucela ukuba umhlise uPawulos, umse ngomso entlanganisweni yamatyala, ngokungathi aza kubuza ngokukhona kucokisekileyo into ngaye.

23:21b.ACT.023.021 Ke wena uze ungoyisakali ngawo; kuba kuwo apho ulalelwe ngamadoda angaphezu kwamashumi amane, azibophileyo ngeziqalekiso, ukuba angadli angaseli ade ambulale; nangoku aselelungile, elinde idinga elivela kuwe.

23:22b.ACT.023.022 Umthetheli-waka wayindulula ke indodana leyo, akuba eyithethele ngelithi, mayingaxeleli bani, ukuba izibonakalalisile kuye ezo ndawo.

23:23b.ACT.023.023 Ebizele kuye abathetheli-khulu abathile ababini, wathi, Lungisani amasoldati abe makhulu mabini, ukuba aye eKesareya, nabamahashe babe mashumi asixhenxe, nababinzi babe makhulu mabini, ngelesithathu ilixa lobusuku;

23:24b.ACT.023.024 nilungise namaqegu, ukuze bamkhwelise uPawulos, bamse kuFelikis irhuluneli, asinde.

23:25b.ACT.023.025 Wabhala incwadi ethi:

23:26b.ACT.023.026 UKlawudiyo Lisiya uyabulisa kuFelikis, irhuluneli edume kunene.

23:27b.ACT.023.027 Le ndoda yayibanjwe ngamaYuda, iza kubulawa ngawo; koko ndathi gaxa kuwo ndinomkhosi, ndayihlangula, ndakuqonda ukuba ingumRoma.

23:28b.ACT.023.028 Ndakuba ke ndingalazi ityala abeyimangalela ngalo, ndayihlisa, ndayisa entlanganisweni yawo yamatyala;

23:29b.ACT.023.029 ndayifumana imangalelwe ngeembuzwano zomthetho wawo, kodwa ingenalo nalinye ityala elilingene ukufa, nokufakwa iintambo.

23:30b.ACT.023.030 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba ndilihletyelwe iyelenqe ebeliza kwenziwa ngayo le ndoda ngamaYuda, ndithumele kuwe kwangelo lixa, ndathi nakubamangaleli bayo, mabazithethe kuwe iindawo abanazo ngakuyo. Hlala kakuhle.

23:31b.ACT.023.031 Amasoldati ke amthabatha uPawulos, njengoko amiselwe ngako, amsa kwa-Antipatri ebusuku.

23:32b.ACT.023.032 Kuthe ke ngengomso abashiya abamahashe, ukuba bahambe naye, wona abuyela enqabeni yomkhosi;

23:33b.ACT.023.033 bathi bona, bakufika eKesareya, bayinikela incwadi kwirhuluneli, bammisa noPawulos phambi kwayo.

23:34b.ACT.023.034 Iyilesile ke irhuluneli, yabuza nokuba ungowabuphi na uburhulumente; ithe yakuqonda ukuba ungowelaseKiliki,

23:35b.ACT.023.035 yathi, Ndokuva kakuhle, xa bathe bafika nabamangaleli bakho; yatsho yathi, makagcinwe endlwini yerhuluneli ebiyekaHerode.

24

24:1b.ACT.024.001 Ke kaloku, emva kweentsuku ezintlanu, wehla umbingeleli omkhulu, uHananiya, enamadoda amakhulu, neciko elithile elinguTertulo, bona bengabamangaleli bakaPawulos kwirhuluneli.

24:2b.ACT.024.002 Uthe ke akubizwa, waqala uTertulo ukummangalela, esithi:

24:3b.ACT.024.003 Sisiva uxolo olukhulu ngawe nje, zikho nje nezenzo eziluncedo ezenzelwe olu hlanga ngokwazalela kwakho, sikwamkela oko sibulela ngako konke, amaxesha onke, nasezindaweni zonke, Felikis odume kunene.

24:4b.ACT.024.004 Ke ukuze ndingabi sakubambezela ngakumbi, ndiyakubongoza ukuba ukhe usive kancinane ngokuthantamisa kwakho.

24:5b.ACT.024.005 Kuba siyifumene le ndoda isisifo, umphambanisi kuwo onke amaYuda akwelimiweyo, ingumkhokeli walo ihlelo lamaNazarete;

24:6b.ACT.024.006 eyathi yalinga ukuyihlambela netempile: esathi sayibamba, safuna ukuyigweba ngowethu umthetho;

24:7b.ACT.024.007 usuke uLisiya, umthetheli-waka, wafika, wayihlutha ngamandla amakhulu ezandleni zethu;

24:8b.ACT.024.008 wathi, mabeze kuwe abamangaleli bayo, ongathi wena ngokwakho, wakuzincina zonke iindawo, ube nako ukuziqonda kuye ezo siyimangalela ngazo thina.

24:9b.ACT.024.009 NamaYuda ke avumelana naye, athi kunjalo kanye.

24:10b.ACT.024.010 Ke kaloku waphendula uPawulos, yakunqwala kuye irhuluneli ukuba athethe, wathi: Ndisazi kakuhle nje, ukuba sekuyiminyaka emininzi ungumgwebi kolu hlanga, kokukhona ndiziphendulela ngomxhelo owonwabileyo ngazo iindawo ezingam.

24:11b.ACT.024.011 Kuba unganokuqonda, ukuba akuntsuku zingaphezu kweshumi elinambini, ndenyukayo ndaya kunqula eYerusalem;

24:12b.ACT.024.012 nasetempileni abandifumananga ndixoxa namntu, ndisenza nasiphendu, nasezindlwini zesikhungu, naphi phakathi komzi.

24:13b.ACT.024.013 Kananjalo abanako ukuzimisa izinto abandimangalela ngazo ngoku.

24:14b.ACT.024.014 Ke ndiyakuvuma oku kuwe, ukuba ngeNdlela abathi bona sisiphambusa, ndenjenjalo ukumkhonza uThixo wakowethu, ndikholwa zizinto zonke ezibhaliweyo emthethweni nasebaprofetini;

24:15b.ACT.024.015 ndinethemba kuThixo, into ke abayilindileyo nabo ngokwabo, ukuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.

24:16b.ACT.024.016 Ke kaloku, kule nto nam ngokwam ndiyazama, ukuba ngamaxesha onke ndingabi nasazela sikhubekisa nganto ngakuThixo nangakubantu.

24:17b.ACT.024.017 Emva kweminyaka emininzi, ndafika ndizisa amalizo neminikelo kuhlanga lwakowethu.

24:18b.ACT.024.018 Kwezo nto andifumana etempileni ndenziwe nyulu, ndingenzi siphendu, ndingenzi nasiphithiphithi, amaYuda athile elaseAsiya;

24:19b.ACT.024.019 abemelwe kukubakho apha phambi kwakho, andimangalele, ukuba angaba anendawo ngakum;

24:20b.ACT.024.020 okanye mabathi bona aba, ukuba kukho nto yokungalungisi bayifumeneyo kum, bayixele, ndakubon’ ukuba ndimi apha entlanganisweni yamatyala;

24:21b.ACT.024.021 ingelilo elo lizwi linye, ndadandulukayo ngalo ndimi phakathi kwabo, lokuthi, Kungalo uvuko lwabafileyo endimangalelwayo mna nini namhla.

24:22b.ACT.024.022 Ke kaloku, akuziva ezi zinto uFelikis, uthe, ezazi ngokhona kucokisekileyo iindawo zale Ndlela, wabalibazisa, wathi, Xa athe wehla uLisiya umthetheli-waka, ndoziqiqa kakuhle iindawo zenu.

24:23b.ACT.024.023 Kanjalo wammisela umthetheli-khulu, ukuba agcinwe uPawulos, abe nokuyekelelwa, kungalelwa nabani wakowabo ukumnceda, nokuba eze kuye.

24:24b.ACT.024.024 Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wafika uFelikis enoDrusila umkakhe, umYudakazi, wathumela wambiza uPawulos, wamva ethetha ngako ukukholwa kuKristu.

24:25b.ACT.024.025 Akubon’ ukuba ke uthetha ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho, wangenwa kukoyika uFelikis, waphendula wathi, Hamba okwakalokunje: ke ndakuzuza ithuba, ndokubiza uze.

24:26b.ACT.024.026 Kunye ke noko, wayethembe ukuba wonikwa imali nguPawulos, ukuze amkhulule; ngako oko kwaba kukhona ambiza futhi, ukuba eze axoxe naye.

24:27b.ACT.024.027 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kudlule iminyaka emibini, uFelikis wakhululana noPorkiyo Festo; kanjalo wathi uFelikis, efuna ukuzithandisa kumaYuda, wamshiya uPawulos ekhonkxiwe.

25

25:1b.ACT.025.001 Uthe ngoko uFesto, akuba engene eburhulumenteni, wathi emva kwemihla emithathu, wenyuka waya eYerusalem, esuka eKesareya.

25:2b.ACT.025.002 Ke kaloku, umbingeleli omkhulu nabaziintloko kumaYuda bammangalela uPawulos kuye, bambongoza,

25:3b.ACT.025.003 becela ukuba abababale ngokumbiza eze eYerusalem; bemlalele ukuze bambulale endleleni.

25:4b.ACT.025.004 Waphendula ke ngoko uFesto, wathi, ugcinwe eKesareya uPawulos; naye ke ngokwakhe uza kuya kamsinya.

25:5b.ACT.025.005 Wathi, Mabathi ngoko abanako phakathi kwenu, behle kunye nam, bayimangalele, ukuba kukho into kule ndoda.

25:6b.ACT.025.006 Akuba ke elibele kubo imihla engaphezu kweshumi, wehla waya eKesareya; ngengomso, akuba ehleli esihlalweni sokugweba, wathi makaziswe uPawulos.

25:7b.ACT.025.007 Uthe ke akufika, amaYuda abehle evela eYerusalem, amngqonga, emtyhola ngamatyala amaninzi anzima uPawulos, awayengenako ukuwamisa;

25:8b.ACT.025.008 esithi yena ukuziphendulela, Nasemthethweni wamaYuda, nasetempileni, nakuKesare, andonanga nto.

25:9b.ACT.025.009 Ke uFesto, efuna ukuzithandisa kumaYuda, umphendule uPawulos wathi, Uyathanda na ukunyuka uye eYerusalem, lithethwe khona ityala lezi zinto phambi kwam?

25:10b.ACT.025.010 Uthe ke uPawulos, Ndimi esihlalweni sokugweba sikaKesare, apho limele ukuthethwa khona ityala lam. AmaYuda andiwonanga nganto, njengokuba nawe usazi kakuhle.

25:11b.ACT.025.011 Kuba okunene ukuba ndonile, ndenza into elingene ukufa, andali kufa; kodwa ukuba akukho nanye yezo zinto bandimangalela ngazo aba, akukho namnye unako ukundinikela kubo. Ndibhenele kuKesare.

25:12b.ACT.025.012 Waza uFesto, akuba ethethe nephakathi, waphendula wathi, Ubhenele kuKesare; uya kuya kuKesare.

25:13b.ACT.025.013 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kudlule imihla ethile, uAgripa, ukumkani, noBhernike bafika eKesareya, besiza kubulisa uFesto.

25:14b.ACT.025.014 Bakulibala khona ke imihla emininzi, uFesto wazandlala phambi kokumkani lowo izinto ezingaye uPawulos, esithi, Kukho ndoda ithile ishiyiweyo nguFelikis,

25:15b.ACT.025.015 ikhonkxiwe, abathe ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu amaYuda, oko ndibe ndiseYerusalem, bayimangalela, becela ukuba igwetywe.

25:16b.ACT.025.016 Endathi ukubaphendula, Asilosiko lamaRoma ukubabala ngomntu abulawe, phambi kokuba lowo umangalelweyo akhangelane nabamangaleli bakhe, azuze nethuba lokuziphendulela ngalo ityala lakhe.

25:17b.ACT.025.017 Bakuba ngoko bebuthelene apha, andilibazisanga; ngomhla olandelayo ndahlala esihlalweni sokugweba, ndathi mayiziswe indoda leyo.

25:18b.ACT.025.018 Abamangaleli bayo, bakuvela, abamisanga nalinye ityala lezo zinto bendizindlela kuzo mna;

25:19b.ACT.025.019 ke baye beneembuzwano ezithile nayo ngokuhlonela kwabo izithixo, nangaYesu uthile ufileyo, abesithi yena uPawulos uhleli.

25:20b.ACT.025.020 Ndakuthingaza ke mna ngawo umbuzo wale ndawo, ndathi, Unga ungaya eYerusalem na, lithethwe khona ityala lezi zinto?

25:21b.ACT.025.021 Akubon’ ukuba ke uPawulos ubhenele ukuba agcinelwe isigwebo soMhlekazi, ndathi makagcinwe, ndide ndimthumele kuKesare.

25:22b.ACT.025.022 Wathi ke uAgripa kuFesto, Bendinga nam ndingakhe ndimve umntu lowo. Wathi ke yena, Uya kumva ngomso.

25:23b.ACT.025.023 Uthe ke akufika ngengomso uAgripa enoBhernike, benendili enkulu, bengene nasendaweni yokuphulaphulela amatyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngezwi likaFesto.

25:24b.ACT.025.024 Wathi uFesto, Agripa kumkani, nani nonke madoda akhoyo nathi, niyambona lo mntu, ethe yonke inkitha yamaYuda yasingisa kum ngaye, naseYerusalem nalapha, ibhomboloza kakhulu isithi, akasafanele kudla ubomi;

25:25b.ACT.025.025 mna ke ndithe ndakuqonda ukuba akenzanga nto ilingene ukufa, akubon’ ukuba naye ngokwakhe ubhenele kuMhlekazi, ndagqiba kwelokuba ndimthumele kuye,

25:26b.ACT.025.026 endingenanto iyinyaniso ndingayibhalayo ngaye enkosini yam. Ngako oko ndimzise phambi kwenu, ngokukodwa phambi kwakho, kumkani Agripa, ukuze, kwakubon’ ukuba kunciniwe, ndibe nento endingayibhalayo;

25:27b.ACT.025.027 kuba kum kubonakala ibubudenge, ukuba kuthunyelwe ikhonkxwa, lingaqondakaliswa netyala elinalo.

26

26:1b.ACT.026.001 Wathi ke uAgripa kuPawulos, Uvunyelwe ukuba uziphendulele. Wandula uPawulos waziphendulela, esolule isandla, wathi:

26:2b.ACT.026.002 Ndiva kamnandi, kumkani Agripa, ndiza kuziphendulela nje phambi kwakho namhla, ngazo zonke izinto endimangalelwa ngazo ngamaYuda;

26:3b.ACT.026.003 ngokukodwa ekubeni usazana nawo onke amasiko neembuzwano zamaYuda. Kungoko ndiyakuthandaza ukuba undive, undinyamezele.

26:4b.ACT.026.004 Ukuhlala kwam ke kwasebuncinaneni bam, okwabakho kwasekuqalekeni phakathi kohlanga lwakowethu eYerusalem, ayakwazi onke amaYuda;

26:5b.ACT.026.005 endazi ngenxa engaphambili (ukuba athe athanda ukungqina), okokuba, ngelona licokisekileyo ihlelo lonqulo lwakowethu, ndahlala ndingumFarisi.

26:6b.ACT.026.006 Nangoku ndimi ndimangalelwa ngenxa yethemba ledinga elabekwa nguThixo kobawo;

26:7b.ACT.026.007 ezithembe ukufika kulo izizwe zakowethu ezilishumi elinazibini, zimkhonza nje uThixo ngenyameko ubusuku nemini; ekungenxa yelo themba endimangalelwayo ngamaYuda, kumkani Agripa.

26:8b.ACT.026.008 Yini na ukuba nithi, yinto eningenakukholwa yiyo, ukuba uThixo uyabavusa abafileyo?

26:9b.ACT.026.009 Mna okunene ke bendiba ngelam, ndimelwe kukwenza izinto ezininzi ezichasene negama likaYesu waseNazarete.

26:10b.ACT.026.010 Endakwenzayo ke oko eYerusalem; nento eninzi yabangcwele ndayitshixela ezintolongweni, ndakuba ndamkele igunya kubabingeleli abakhulu; ndaza, bakuba besikwa, ndavuma.

26:11b.ACT.026.011 Nakuzo zonke izindlu zesikhungu ndibe ndibohlwaya futhi, ndibanyanzela ukuba banyelise; ndathi, ndibagezela ngokuncamisileyo, ndabatshutshisa, ndada ndesa kwimizi engaphandle.

26:12b.ACT.026.012 Kunjalonje ke, kwathi, xa ndiyayo eDamasko, ndinegunya nemvume kubabingeleli abakhulu,

26:13b.ACT.026.013 emini enkulu endleleni, kumkani, ndabona ukukhanya kuvela ezulwini, okungaphezu kokuqaqamba kwelanga, kundibanekela ngeenxa zonke, nabo babehamba nam.

26:14b.ACT.026.014 Sithe ke sakubon’ ukuba siwile sonke emhlabeni, ndeva izwi lithetha nam ngentetho yesiHebhere, lisithi, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? wenzakala, ukhaba iimviko nje.

26:15b.ACT.026.015 Ndathi ke mna, Ungubani na, Nkosi? Yathi ke yona, Mna ndinguYesu omtshutshisayo.

26:16b.ACT.026.016 Vuka, ume ngeenyawo; kuba ndibonakele kuwe ngenxa yoku, ukuba ndikumise ube ngumkhonzi nengqina lezi zinto uzibonileyo, nendiya kubonakala kuwe ngazo;

26:17b.ACT.026.017 ndikunyothula ebantwini nasezintlangeni, endikuthuma kuzo ngokunje;

26:18b.ACT.026.018 ukuba uvule amehlo abo, ukuze babuye ebumnyameni, beze ebumhlotsheni; babuye egunyeni likaSathana, beze kuThixo; ukuze bamkele uxolelo lwezono, nelifa phakathi kwabangcwalisiweyo, ngokukholwa kum.

26:19b.ACT.026.019 Ekuthe koko, kumkani Agripa, andaba nguye ongawululameliyo umbono wasemazulwini;

26:20b.ACT.026.020 ndesuka ndababikela abaseDamasko kuqala, nabaseYerusalem, nakulo lonke ilizwe lakwaYuda, nakuzo iintlanga, ukuba baguquke babuyele kuThixo, benze imisebenzi efanele inguquko.

26:21b.ACT.026.021 Ngenxa yezi zinto amaYuda andibamba etempileni, azamela ukundibulala.

26:22b.ACT.026.022 Ngoko ndizuze uncedo kuThixo nje, ndimisile kude kube yile mini, ndingqina komncinane nakomkhulu, ndingathethi nanye into ngaphandle kwezo, bathi abaprofeti noMoses ziza kubakho;

26:23b.ACT.026.023 zokuba uKristu ubeza kuva iintlungu, nokuba ubeza kuthi, engowokuqala eluvukweni lwabafileyo, azise ukukhanya ebantwini nasezintlangeni.

26:24b.ACT.026.024 Ke kaloku, akubon’ ukuba uyaziphendulela ngokunjalo, uFesto wathi ngezwi elikhulu, Uyageza, Pawulos; imfundo eninzi iyakugezisa.

26:25b.ACT.026.025 Wathi ke yena, Andigezi, Festo odume kunene; ndiphimisela amazwi enyaniso nawengqondo ephilileyo.

26:26b.ACT.026.026 Kuba ezo ndawo uyazazi kakuhle ukumkani, endithetha kuye ngokungafihlisiyo; kuba ndikholosekile kukuba akukho nanye yezi zinto ifihlakeleyo kuye; kuba le nto ibingenzelwanga egumbini.

26:27b.ACT.026.027 Uyakholwa na, kumkani Agripa, ngabaprofeti? Ndiyazi ukuba uyakholwa.

26:28b.ACT.026.028 Wathi ke uAgripa kuPawulos, Ngokuncinane undeyisela ukuba ndibe ngumKristu.

26:29b.ACT.026.029 Wathi ke uPawulos, Ndithandaza kuThixo, ukuba ingabi nguwe wedwa, ibe ngabo bonke abandivayo namhlanje, abaya kuthi, nangokuncinane nangokukhulu, babe njengam nje, ngaphandle kwezi ntambo.

26:30b.ACT.026.030 Akuba etshilo, besuka ukumkani, nerhuluneli, noBhernike, kwanababehleli nabo;

26:31b.ACT.026.031 beshenxile, bathetha bodwa bathi, Lo mntu akenze nanye into elingene ukufa neentambo.

26:32b.ACT.026.032 Wathi ke uAgripa kuFesto, Lo mntu ange enokukhululwa, ukuba ubengabhenele kuKesare.

27

27:1b.ACT.027.001 Ke kaloku, kwakugqitywa kwelokuba sisuke ngomkhombe siye kwelaseItali, bamnikela uPawulos kwanabanye ababanjwa abathile kumthetheli-khulu, ogama linguYuliyo, webutho loMhlekazi.

27:2b.ACT.027.002 Singenile ke emkhombeni waseAdramita, sisiza kudlula ngakwimimandla yelaseAsiya, sanduluka, kwakubon’ ukuba uAristarko, umMakedoni waseTesalonika, unathi.

27:3b.ACT.027.003 Sathi ngengomso safika eTsidon; waza uYuliyo wamphatha uPawulos ngobubele, wamvumela ukuba aye ezihlotyeni zakhe, ongiwe.

27:4b.ACT.027.004 Sanduluka nalapho, sahamba ngomkhombe, sabetha ezantsi kweSipro, ngenxa yokuba imimoya ibivela ngaphambili.

27:5b.ACT.027.005 Sakulucanda nolwandle olungakwelaseKiliki nelasePamfili, safika eMira yelaseLiki.

27:6b.ACT.027.006 Apho ke umthetheli-khulu wafumana umkhombe wakwa-Alesandire, usiya kwelaseItali, wasikhwelisa kuwo.

27:7b.ACT.027.007 Ke kaloku iintsuku zanela sihamba kancinane, kwaba ngenkankulu ukuba sifike ngaseKinido. Uthe wakuba umoya ungasivumeli ukuba sisondele, sabetha ezantsi kweKrete ngaseSalimone.

27:8b.ACT.027.008 Saza sadlula kuyo ngenkankulu, safika ndaweni ithile kuthiwa ngamaChweba aMahle, obukufuphi kuyo umzi waseLaseya.

27:9b.ACT.027.009 Lithe ke lakudlula ixesha elaneleyo, nokuhamba ngomkhombe kunengozi, ngenxa yokuba nozilo beluse ludlule, uPawulos wamana ebaluleka,

27:10b.ACT.027.010 esithi kubo, Madoda, ndiyabona ukuba uhambo olu luza kuba nenkxwaleko nokonakala okukhulu, kungekwamthwalo namkhombe wodwa, kukokobomi bethu nabo.

27:11b.ACT.027.011 Kodwa umthetheli-khulu wayethambele okomqhubi nokomninimkhombe ukuthetha, kunokukaPawulos.

27:12b.ACT.027.012 Ke kaloku, ichweba lingakulungele nje ukuba kudluliswe busika kulo, abona baninzi kubo baceba ukuba kundulukwe khona, ukuba mhlawumbi banganokufikelela badlulise ubusika eFinikis, elichweba laseKrete; elibheke kwintshonalanga engasezantsi, nakwintshonalanga engasentla.

27:13b.ACT.027.013 Kuthe ke, wakubetha impepho umoya wasezantsi, beba bakuzuzile ababekungxamele, banduluka, badlula kufuphi neKrete.

27:14b.ACT.027.014 Kodwa kungekabi mzuzu, kwagaleleka khona umoya osisaqhwithi, ekuthiwa yiYuroklidon.

27:15b.ACT.027.015 Kuthe ke kwakubon’ ukuba uthiwe hlasi umkhombe, awaba nako ukumelana nomoya, sasesiwuyeka; saqhutywa.

27:16b.ACT.027.016 Sathi sakubaleka ke, sibetha ngaphantsi kwesiqithana esithile, ekuthiwa yiKlawuda, kwaba ngenkankulu ukuba sibe nako ukuwubamba umkhonjana;

27:17b.ACT.027.017 abathe bakuwufunqula, basebenza ngezinto zokunceda, bewubhinqisa umkhombe; kananjalo bathi, besoyika ukuba bangeyela esihlabeni, bazifinyeza iiseyile, baqhutywa benjalo.

27:18b.ACT.027.018 Sithe ke, sakubon’ ukuba ke sibandezelwe kakubi liliqhwa, ngomhla olandelayo bawuphungula umthwalo;

27:19b.ACT.027.019 nangowesithathu sayilahla ngezandla zethu impahla yomkhombe.

27:20b.ACT.027.020 Kuthe ke, kwakubon’ ukuba akubonakali langa nankwenkwezi iintsuku ezininzi, kucinezele neliqhwa elingelincinane, laphela kwathi tu lonke ithemba lokuba singasindiswa.

27:21b.ACT.027.021 Emva kokuzila ukudla ixesha elide, wesuka wema uPawulos phakathi kwabo, wathi, Hina madoda, ninge naniphulaphule kum, ananduluka eKrete, nizuzane nale nkxwaleko noku konakala.

27:22b.ACT.027.022 Nangoku ndiyaniluleka ukuba nibe nomxhelo owonwabileyo; kuba kuni aba, akukho uya kulahlekelwa bubomi bakhe, yoba ngumkhombe wodwa.

27:23b.ACT.027.023 Kuba ngobu busuku bekumi ngakumisithunywa sikaThixo, endingowakhe, endimkhonzayo,

27:24b.ACT.027.024 sisithi, Musa ukoyika, Pawulos, umelwe kukuma phambi koKesare; uyabona, uThixo ukubabale ngabo bonke abasemkhombeni nawe.

27:25b.ACT.027.025 Kungoko ndithi, Yibani nomxhelo owonwabileyo, madoda; kuba ndiyakholwa nguThixo, ukuba kuya kuba njalo ngolo hlobo athethe ngalo kum.

27:26b.ACT.027.026 Kodwa simelwe kukuphoseka siqithini sithile.

27:27b.ACT.027.027 Ke kaloku, kwakufika ubusuku beshumi elinesine, sakubon’ ukuba siqhutywaqhutywa ngumoya eAdriya, mayela phakathi kobusuku, oomatrose bazindla ukuba kukho mhlaba uthile basondelayo kuwo.

27:28b.ACT.027.028 Baza bakuba beyiphosile ilothe, bafumana ukuba ziifatom ezimashumi mabini; bethe tyi ke kancinane, baphinda bayiphosa ilothe, bafumana ukuba ziifatom ezilishumi elinantlanu.

27:29b.ACT.027.029 Baza, besoyika ukuthi bangaphoseka ezindaweni ezibungqagala, baphosa iiankile zane esinqeni somkhombe, banga kungasa.

27:30b.ACT.027.030 Ke kaloku, bakubon’ ukuba oomatrose bangxamele ukubaleka baphume emkhombeni, bewuhlisele elwandle umkhonjana, bengathi baza kuyekelela iankile ngaphambili,

27:31b.ACT.027.031 wathi uPawulos kumthetheli-khulu nakumasoldati, Ukuba aba abathanga bahlale emkhombeni, aninakusindiswa nina.

27:32b.ACT.027.032 Andula amasoldati azinqamla iintsontelo zomkhonjana, awuyeka wawa, wemka.

27:33b.ACT.027.033 Ke kaloku kwada kwaza kusa, uPawulos ebabongoza bonke ukuba badle ukudla, esithi, Namhla ngumhla weshumi elinesine nilinda, nimana nizila ukudla, ningafaki nto emlonyeni;

27:34b.ACT.027.034 ke ngoko ndiyanibongoza ukuba nidle ukudla; kuba oko kuyelelene nokusindiswa kwenu; kuba akuyi kuwa nalunwele lwentloko kabani kuni.

27:35b.ACT.027.035 Ke kaloku, akuba etshilo, wathabatha isonka, wabulela kuThixo emehlweni abo bonke; waqhekeza, waqala wadla.

27:36b.ACT.027.036 Bonke ke baba nomxhelo owonwabileyo, bathabatha ukudla nabo.

27:37b.ACT.027.037 Saye ke emkhombeni apho sonke siyimiphefumlo emakhulu mabini anamanci asixhenxe anamithandathu.

27:38b.ACT.027.038 Bathe ke, bakuhlutha, bawenza khaphukhaphu umkhombe, beyiphosa elwandle ingqolowa.

27:39b.ACT.027.039 Kwakusa ke, abawazanga loo mhlaba; ke babona ichwetyana elithile linonxweme, babhunga ukuwutyhalela kulo umkhombe, ukuba bangaba nako.

27:40b.ACT.027.040 Baza, bezinqumla zonke iiankile, baziyekela elwandle, bezikhulule kunye nezibophelelo zemithi yokujika; bayitwabulula iseyilana ngasemoyeni, babhekisa elunxwemeni.

27:41b.ACT.027.041 Bakuba ke begaxeleke endaweni enolwandle ngeenxa zombini, wangqubeka khona umkhombe; umphambili wagxumekeka khona, wahlala awashukuma; ke sona isinqe saqhekeka ngamandla amaza.

27:42b.ACT.027.042 Ke kaloku icebo lamasoldati laba lelokuba babulawe ababanjwa, hleze kubekho obaleka ngokudada, aphume.

27:43b.ACT.027.043 Kodwa umthetheli-khulu, enga angamsindisa uPawulos, wawalela kwicebo lawo; kananjalo wathi, abo banako ukudada mabaziphose kuqala baphumele emhlabeni;

27:44b.ACT.027.044 bathi abaseleyo, inxenye ikhwele eziplangeni, inxenye ikhwele kwezinye izinto zomkhombe. Kwaza kwathi ngokunjalo bafika emhlabeni, basinda bonke.

28

28:1b.ACT.028.001 Bakuba besindile, baqala ukuqonda ukuba isiqhithi eso kuthiwa yiMelita.

28:2b.ACT.028.002 Amabharbhari ke lawo asenzela ububele obungahlali busihla; kuba aphemba umlilo, asamkela sonke ngenxa yemvula esifikeleyo, nangenxa yokubanda.

28:3b.ACT.028.003 Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos utheze inyanda yeentsasa, wayibeka phezu komlilo, kwaphuma inyoka ebushushwini obo, yanamathela esandleni sakhe.

28:4b.ACT.028.004 Athe ke amabharbhari, akusibona isilo eso silengalenga esandleni sakhe, athetha odwa athi, Okwenene lo mntu ungumbulali; nakuba esindile elwandle, impindezelo ayivumi ukuba adle ubomi.

28:5b.ACT.028.005 Yena ngoko wasivuthululela emlilweni isilo eso, akeva buhlungu noko.

28:6b.ACT.028.006 Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe; bakulinda futhi ke, bakubona engahliwa nto imbi, bajika bathi unguthixo.

28:7b.ACT.028.007 Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu.

28:8b.ACT.028.008 Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza; wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa.

28:9b.ACT.028.009 Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi;

28:10b.ACT.028.010 bathi, xa sindulukayo, basithwesa ngezinto esizisweleyo.

28:11b.ACT.028.011 Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini eso, onembasa yamaWele.

28:12b.ACT.028.012 Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu.

28:13b.ACT.028.013 Sisuka khona, sajikeleza safika eRegiyo; emva kosuku olunye, kwakubon’ ukuba umoya wasezantsi uvukile, safika ngowesibini umhla ePotiyoli;

28:14b.ACT.028.014 safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma.

28:15b.ACT.028.015 Bathi abazalwana, bakusiva, baphuma khona apho, beza kusihlangabeza, bada beza eApiyoforo, naseTritabherne; athe uPawulos, akubabona, wabulela kuThixo, womelezeka.

28:16b.ACT.028.016 Ke kaloku, xeshikweni sifikileyo eRoma, umthetheli-khulu wabanikela ababanjwa kumthetheli-mkhosi; ke yena uPawulos wavunyelwa ukuba ahlale yedwa, nesoldati elimgcinayo.

28:17b.ACT.028.017 Kwathi ke, emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wabizela ndawonye abaziintloko bamaYuda; abathe bakubon’ ukuba ke babuthelene, wathi kubo, Madoda, bazalwana, mna ndithe, ndingenzanga nto ichasene nabantu namasiko akowethu, ndesuka eYerusalem ndingumbanjwa, ndanikelwa ezandleni zamaRoma.

28:18b.ACT.028.018 Athe wona akundincina, afuna ukundikhulula, ngenxa yokuba kungekho tyala lakufa ndinalo.

28:19b.ACT.028.019 Athe ke amaYuda akuphika, ndanyanzeleka ukuba ndibhenele kuKesare; kungengakuba ndibe ndinento yokulumangalela ngayo uhlanga lwakowethu.

28:20b.ACT.028.020 Ndinibongoze ke ngenxa yeso sizathu ukuba nize, ndinibone, ndithethe nani; kuba kungenxa yethemba lakwaSirayeli endinxitywe lo mxokelelwane.

28:21b.ACT.028.021 Wona ke athi kuye, Thina asizuzanga zincwadi zithetha ngawe, zivele kwelakwaYuda; kananjalo akufikanga bani wakubazalwana, owabika, wathetha nto ikhohlakeleyo ngawe.

28:22b.ACT.028.022 Singa ke singeva kuwe izinto ozicingayo; kuba okunene ngalo elo hlelo kuyazeka kuthi, ukuba lichasiwe ezindaweni zonke.

28:23b.ACT.028.023 Ke kaloku, bakummisela imini, kweza kuye into eninzi endlwini abehlala kuyo, wabatyhilela, ebaqononondisa kunene, ubukumkani bukaThixo; kananjalo ebebeyisela kokungoYesu, ethabatha emthethweni kaMoses kwanakubaprofeti, eqala kusasa ahlwise.

28:24b.ACT.028.024 Yaye inxenye iseyiseka ngaloo mazwi athethwa nguye, yaye inxenye ingakholwa.

28:25b.ACT.028.025 Bakuba ke bengavumelani, banduluka, akubon’ ukuba uPawulos uthethe zwi-nye, wathi, Watyapha uMoya oyiNgcwele ukuthetha ngoIsaya umprofeti koobawo bethu,

28:26b.ACT.028.026 esithi, Hamba uye kwaba bantu, uthi, Ukuva oku niya kuva, ningakhe niqonde; Nithi nibona nje, nibone, ningakhe niqiqe.

28:27b.ACT.028.027 Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba; Beva nzima ngeendlebe, Bewacima namehlo abo; Hleze babone ngamehlo, Beve ngeendlebe, Baqonde ngeentliziyo, Bajike, ndibaphilise.

28:28b.ACT.028.028 Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukaThixo luthunyelwe kuzo iintlanga; ziya kuluva zona.

28:29b.ACT.028.029 Akuba etshilo, emka amaYuda, enembuzwano enkulu phakathi kwawo.

28:30b.ACT.028.030 Ke kaloku, uPawulos wahlala iminyaka emibini iphela kweyakhe indlu ayiqeshileyo, wabamkela bonke ababesiza kuye,

28:31b.ACT.028.031 ebuvakalisa ubukumkani bukaThixo, efundisa iindawo ezingeNkosi uYesu Kristu ngako konke ukungafihlisi, engalelwa bani.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Acts (Xhosa). Acts (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3F7-5