Luke (Xhosa)
1
1:1b.LUK.001.001 Bethe nje ke abaninzi bazamela ukucacisa ibali lezo zinto ziziziganeko phakathi kwethu,
1:2b.LUK.001.002 njengoko basinikelayo abo, bathi kwasekuqaleni baba ngababoneli nabakhonzi balo ilizwi:
1:3b.LUK.001.003 kwabonakala kulungile nakum, ndizilandile nje ngokucokisekileyo zonke, ndizekela kwasentloko, ukuba ndikubhalele ngokucacileyo, Tiyofilo odume kunene,
1:4b.LUK.001.004 ukuze uyazi kakuhle ingqiniseko yamazwi owafundisiweyo ngomlomo.
1:5b.LUK.001.005 Ngemihla kaHerode ukumkani wakwaYuda, kwaye kukho umbingeleli othile, ogama linguZekariya, engoweqela lika-Abhiya, nomfazi wakhe engowasezintombini zika-Aron, igama lakhe linguElizabhete.
1:6b.LUK.001.006 Bebengamalungisa ke bobabini emehlweni kaThixo, behamba ngayo yonke imithetho nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka.
1:7b.LUK.001.007 Baye bengenamntwana, ngokokuba uElizabhete ebengazali, kanjalo bobabini babesebekhulile.
1:8b.LUK.001.008 Kwathi ke kaloku, ekubuphatheni ububingeleli bakhe ngexesha leqela lakhe phambi koThixo,
1:9b.LUK.001.009 ngokwesiko lobubingeleli, kwaba liqashiso lakhe ukuba aqhumise ubulawu, akuba engene endaweni engcwele yeNkosi.
1:10b.LUK.001.010 Yaye yonke inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngelixa lesiqhumiso.
1:11b.LUK.001.011 Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso.
1:12b.LUK.001.012 Wakhathazeka uZekariya, akusibona, wangenelwa kukoyika.
1:13b.LUK.001.013 Sathi ke isithunywa eso kuye, Musa ukoyika, Zekariya, ngokokuba isikhungo sakho siviwe; wothi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane.
1:14b.LUK.001.014 Uya kuba nokuvuya nokugcoba, bathi nabaninzi bakuvuyele ukuzalwa kwakhe.
1:15b.LUK.001.015 Kuba uya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; uya kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe.
1:16b.LUK.001.016 Nento eninzi ke yoonyana bakaSirayeli uya kuyibuyisela eNkosini uThixo wabo.
1:17b.LUK.001.017 Yena uya kuhamba phambi kobuso bayo, enomoya enamandla kaEliya, ukuba azibuyisele iintliziyo zooyise kubantwana, nabangevayo kuko ukuqonda kwamalungisa, alungisele iNkosi abantu abalungisiweyo.
1:18b.LUK.001.018 Wathi uZekariya kuso isithunywa, Ndiya kukwazi ngani na oko? Kuba mna ndimdala, waye nomfazi wam selekhulile.
1:19b.LUK.001.019 Saphendula ke isithunywa, sathi kuye, Mna ndinguGabriyeli, oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe kuwe, ndikushumayeze ezi ndaba zilungileyo.
1:20b.LUK.001.020 Uyabona, uya kuba sisidenge, ungabi nako ukuthetha, kude kube yimini eziya kuthi zenzeke ngayo ezi zinto, ngenxa enokuba ungakholwanga ngamazwi am; aya kuzalisekiswa wona ngexesha lawo.
1:21b.LUK.001.021 Baye abantu bemlindile uZekariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele leyo.
1:22b.LUK.001.022 Uthe ke akuphuma, akaba nako ukuthetha kubo; baqonda ukuba ubone umbono endaweni engcwele apho, waye yena emana ukunqwala kubo, wahlala engathethi.
1:23b.LUK.001.023 Kwathi yakuzaliseka imihla yombuso wakhe, wemka waya endlwini yakhe.
1:24b.LUK.001.024 Emveni kwayo loo mihla ke, uElizabhete umfazi wakhe wathabatha, wazizimeza iinyanga zantlanu, esithi,
1:25b.LUK.001.025 Yenjenje iNkosi kum ngemihla eyandikhangelayo, ukuba ikususe ukungcikiveka kwam phakathi kwabantu.
1:26b.LUK.001.026 Ke kaloku ngenyanga yesithandathu, isithunywa esinguGabriyeli sathunyelwa nguThixo emzini welaseGalili, ogama liyiNazarete,
1:27b.LUK.001.027 kwintombi, eganelwe indoda egama linguYosefu, yendlu kaDavide; laye igama lentombi leyo linguMariya.
1:28b.LUK.001.028 Sangena isithunywa kuye, sathi, Vuya, wena ubabalweyo! INkosi inawe; usikelelwe wena phakathi kwabafazi.
1:29b.LUK.001.029 Uthe ke akusibona, wee qhiphu umbilini ngenxa yelizwi laso; wayecamanga ukuba ungaba mbuliso mni na lo.
1:30b.LUK.001.030 Sathi ke isithunywa kuye, Musa ukoyika, Mariya; kuba ubabalwe nguThixo.
1:31b.LUK.001.031 Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.
1:32b.LUK.001.032 Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide,
1:33b.LUK.001.033 uyise, abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo.
1:34b.LUK.001.034 Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje?
1:35b.LUK.001.035 Saphendula isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo.
1:36b.LUK.001.036 Uyabona, uElizabhete, ozalana nawe, naye umithe unyana ebudaleni bakhe; nale yinyanga yesithandathu kuye, lowo bekuthiwa ngongazaliyo;
1:37b.LUK.001.037 ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo.
1:38b.LUK.001.038 Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makwenzeke kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye.
1:39b.LUK.001.039 Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda;
1:40b.LUK.001.040 wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete.
1:41b.LUK.001.041 Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe, wesuka wazala nguMoya oyiNgcwele uElizabhete.
1:42b.LUK.001.042 Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Unentsikelelo wena phakathi kwabafazi; sinentsikelelo nesiqhamo sesizalo sakho.
1:43b.LUK.001.043 Kuhle ngani na kum, ukuthi unina weNkosi yam eze kum?
1:44b.LUK.001.044 Kuba uyabona, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngokugcoba esizalweni sam.
1:45b.LUK.001.045 Unoyolo lowo wakholwayo koko; ngokuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi.
1:46b.LUK.001.046 Wathi uMariya: Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi,
1:47b.LUK.001.047 Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam;
1:48b.LUK.001.048 Ngokuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe; Kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana;
1:49b.LUK.001.049 Ngokuba wandenzela izinto ezinkulu uSomandla; Lingcwele igama lakhe.
1:50b.LUK.001.050 Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana Kwabo bamoyikayo.
1:51b.LUK.001.051 Wenze amandla ngengalo yakhe, Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo.
1:52b.LUK.001.052 Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo, Wabaphakamisa abathobekileyo.
1:53b.LUK.001.053 Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo; Wabandulula abazizityebi belambatha.
1:54b.LUK.001.054 Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe, Ngokukhumbula inceba yakhe;
1:55b.LUK.001.055 Njengoko wathethayo koobawo bethu, KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade.
1:56b.LUK.001.056 Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya.
1:57b.LUK.001.057 Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana.
1:58b.LUK.001.058 Beva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye, baye ke bevuyisana naye.
1:59b.LUK.001.059 Kwathi ngomhla wesibhozo, beza kumalusa umntwana; baye bemthiya igama likayise, besithi nguZekariya;
1:60b.LUK.001.060 koko waphendulayo unina, wathi, Hayi; uya kubizwa ngokuba nguYohane.
1:61b.LUK.001.061 Bathi kuye, Akukho namnye ubizwa ngelo gama kwimizalwane yakho.
1:62b.LUK.001.062 Baye ke benqwala kuyise besithi, angathanda ukuba athiweni na ukubizwa.
1:63b.LUK.001.063 Wabiza icwecwana, wabhala esithi, Igama lakhe nguYohane. Bamangaliswa bonke.
1:64b.LUK.001.064 Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe, lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha, ebonga uThixo.
1:65b.LUK.001.065 Kwehla ukoyika phezu kwalo lonke umelwane lwabo; kwaye kulo lonke eleentaba lakwaYuda kuxoxwa ngazo zonke ezi zinto.
1:66b.LUK.001.066 Bathi bonke abazivayo, bazibeka entliziyweni yabo, besithi, Azi uya kuba yintoni na lo mntwana? Saye isandla seNkosi sinaye.
1:67b.LUK.001.067 UZekariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, waprofeta esithi:
1:68b.LUK.001.068 Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli, Ngokuba ibavelele yabakhulula ngentlawulelo abantu bayo.
1:69b.LUK.001.069 Yasiphakamisela uphondo losindiso Endlwini kaDavide, umkhonzi wayo,
1:70b.LUK.001.070 Njengoko yathethayo ngomlomo wabangcwele, ababengabaprofeti bayo kwasephakadeni;
1:71b.LUK.001.071 Usindiso lokusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abo basithiyayo;
1:72b.LUK.001.072 Ukubenzela inceba oobawo bethu, Nokukhumbula umnqophiso wayo ongcwele,
1:73b.LUK.001.073 Isifungo eyasifungela uAbraham ubawo wethu,
1:74b.LUK.001.074 Sokusinika ukuba sithi, sihlangulwe esandleni seentshaba zethu, Siyikhonze singenakoyika,
1:75b.LUK.001.075 Ngobungcwele nangobulungisa emehlweni ayo, yonke imihla yobomi bethu.
1:76b.LUK.001.076 Nawe, mntwana, uya kubizwa ngokuba ungumprofeti wOsenyangweni, Kuba uya kuhamba phambi kobuso beNkosi, ulungise iindlela zayo,
1:77b.LUK.001.077 Ukuze ubanike abantu bayo ukwaziwa kosindiso Ngoxolelo lwezono zabo,
1:78b.LUK.001.078 Ngenxa yenceba nemfesane yoThixo wethu, Othe ngaye wasivelela umso wasenyangweni,
1:79b.LUK.001.079 Ukuba ukhanye kwabo bahleliyo emnyameni, nasethunzi nilokufa, Ukuba uzingenise iinyawo zethu endleleni yoxolo.
1:80b.LUK.001.080 Wakhula umntwana, waya esomelela ngomoya; waye esentlango, kwada kwayimini yokubonakalaliswa kwakhe kuSirayeli.
2
2:1b.LUK.002.001 Ke kaloku kwathi ngaloo mihla, kwaphuma ummiselo kuKesare Awugusto othi, malibhalwe encwadini yomlibo wokuzalwa lonke elimiweyo.
2:2b.LUK.002.002 Olo lubhalo lwaba lolokuqala, akubon ukuba uKireniyo uyirhuluneli yeSiriya.
2:3b.LUK.002.003 Babesithi bonke baye kubhalwa, athi elowo aye kowakowabo umzi.
2:4b.LUK.002.004 Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem, ngenxa yokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe;
2:5b.LUK.002.005 esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe.
2:6b.LUK.002.006 Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale.
2:7b.LUK.002.007 Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngenxa enokuba babengenandawo endlwini yabahambi.
2:8b.LUK.002.008 Kwaye kukho abalusi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo.
2:9b.LUK.002.009 Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu.
2:10b.LUK.002.010 Isithunywa eso sathi kubo, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu;
2:11b.LUK.002.011 ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu iNkosi.
2:12b.LUK.002.012 Nantsi ke into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana lusana lusongelweyo eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali.
2:13b.LUK.002.013 Kwabakho ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi,
2:14b.LUK.002.014 Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini.
2:15b.LUK.002.015 Kwathi ke, zakumka kubo izithunywa zisiya emazulwini, abantu abo abalusi bathi omnye komnye, Masesihamba sisiya eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo yiNkosi.
2:16b.LUK.002.016 Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali.
2:17b.LUK.002.017 Bathi ke, bakubona, balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana.
2:18b.LUK.002.018 Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi.
2:19b.LUK.002.019 Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe.
2:20b.LUK.002.020 Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengoko kwabe kuthethiwe kubo.
2:21b.LUK.002.021 Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku ezisibhozo zokuba umntwana aluswe, wathiywa igama elinguYesu, elo wabelithiyiwe sisithunywa sezulu, engekamithwa nokumithwa.
2:22b.LUK.002.022 Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo ngokomthetho kaMoses, benyuka naye baya eYerusalem, ukuba bammise phambi kweNkosi,
2:23b.LUK.002.023 njengoko kubhaliweyo emthethweni weNkosi, kwathiwa, Yonke into eliduna, evula isizalo, ize kuthiwe ingcwele eNkosini;
2:24b.LUK.002.024 nokuba benze idini njengoko kutshiwoyo emthethweni weNkosi ukuthi, Isibini samahobe, nokuba ngamagobo amabini amavukuthu.
2:25b.LUK.002.025 Kwaye ke kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe.
2:26b.LUK.002.026 Wayehlatyelwe nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi.
2:27b.LUK.002.027 Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho,
2:28b.LUK.002.028 yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi:
2:29b.LUK.002.029 Uyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho;
2:30b.LUK.002.030 Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,
2:31b.LUK.002.031 Olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe,
2:32b.LUK.002.032 Isikhanyiso sokutyhilela iintlanga, Uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli.
2:33b.LUK.002.033 Babemangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye.
2:34b.LUK.002.034 USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo;
2:35b.LUK.002.035 ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha.
2:36b.LUK.002.036 Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu; waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe.
2:37b.LUK.002.037 Waye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anamine, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini.
2:38b.LUK.002.038 Yena wayemele kufuphi ngelo lixa, wathelela ekuyidumiseni iNkosi; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem.
2:39b.LUK.002.039 Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete.
2:40b.LUK.002.040 Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe.
2:41b.LUK.002.041 Baye ke abazali bakhe behambela eYerusalem, iminyaka ngeminyaka, emthendelekweni wepasika.
2:42b.LUK.002.042 Kuthe, xa abe eminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, bakubon ukuba banyuke baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo,
2:43b.LUK.002.043 bakubon ukuba bazigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. Babengazi ke uYosefu nonina.
2:44b.LUK.002.044 Babeba ke bona usemkhokweni wabahambi, bahamba uhambo lwamini-nye; bamana bemfuna phakathi kwemizalwana, naphakathi kwabazana nabo.
2:45b.LUK.002.045 Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna.
2:46b.LUK.002.046 Kwathi, emveni kwemihla emithathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza.
2:47b.LUK.002.047 Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe na ziimpendulo zakhe.
2:48b.LUK.002.048 Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam sibe sikufuna, sibuhlungu kakhulu.
2:49b.LUK.002.049 Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo?
2:50b.LUK.002.050 Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.
2:51b.LUK.002.051 Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Wamana ukuzigcina ke unina zonke ezo ndawo entliziyweni yakhe.
2:52b.LUK.002.052 Waye UYesu ehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.
3
3:1b.LUK.003.001 Ke kaloku, ngomnyaka weshumi elinantlanu wokulawula kukaTibheriyo Kesare, inguPontiyo Pilato irhuluneli kwelakwaYuda, inguHerode umphathi wesahlulo sesine esilelaseGalili, inguFilipu ke umzalwana wakhe umphathi wesahlulo sesine esilelaseYitureya nelizwe leTrakoniti, inguLisaniyo umphathi wesahlulo sesine esilelaseAbhilene,
3:2b.LUK.003.002 ngexa lababingeleli abakhulu ooAnas noKayafa, lafika ilizwi likaThixo kuYohane, unyana kaZekariya, entlango.
3:3b.LUK.003.003 Weza kuwo wonke ummandla waseYordan, evakalisa ubhaptizo lwenguquko ukuze kuxolelwe izono;
3:4b.LUK.003.004 njengoko kubhaliweyo encwadini yamazwi kaIsaya umprofeti, esithi, Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yilungiseni indlela yeNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo.
3:5b.LUK.003.005 Yonke imifula iya kudityelelwa, Nazo zonke iintaba neenduli ziya kuthotywa, Neendawo ezigoso ziya kuthi tye, Nezibugqagala ziya kuba ziindlela ezigudileyo;
3:6b.LUK.003.006 Bonke abantu baya kulubona usindiso lukaThixo.
3:7b.LUK.003.007 Wayesithi ngoko kuzo izihlwele ezaziphuma zisiza kubhaptizwa nguye, Nzalandini yamarhamba, ngubani na owanibonisayo, ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?
3:8b.LUK.003.008 Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningaqali nithi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham: kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.
3:9b.LUK.003.009 Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko umthi wonke ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni.
3:10b.LUK.003.010 Zaye izihlwele zibuza kuye, zisithi, Masenze ntoni na ke?
3:11b.LUK.003.011 Waphendula ke wathi kubo, Lowo uneengubo zangaphantsi ezimbini, makabele ongenayo: nalowo unokudla, makenjenjalo.
3:12b.LUK.003.012 Kweza ke nababuthi berhafu ukuba babhaptizwe, bathi kuye, Mfundisi, masenze ntoni na?
3:13b.LUK.003.013 Wathi ke kubo, Ningabizi okungaphezu kwenikumiselweyo.
3:14b.LUK.003.014 Ayebuza kuye ke namasoldati, esithi, Masenze ntoni na ke thina? Wathi kuwo, Ningaphangi mntu ngokumoyikisa, ningadli mntu ngokumtyhola; yanelani yimivuzo yenu.
3:15b.LUK.003.015 Ke kaloku, bakubon ukuba abantu balindile, becamanga bonke ezintliziyweni zabo ngaye uYohane, ukuba akangebi nguye na uKristu,
3:16b.LUK.003.016 waphendula uYohane kubo bonke esithi, Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe; uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo yena;
3:17b.LUK.003.017 omnyazi wokwela usesandleni sakhe. Uya kusicokisa kuthi tu isanda sakhe, ayibuthele kuvimba wakhe ingqolowa; ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.
3:18b.LUK.003.018 Waye ke ngoko evuselela nangezinye izinto ezininzi, eshumayela iindaba ezilungileyo ebantwini.
3:19b.LUK.003.019 Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, ohlwayiwe nguye ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umninawa wakhe, nangenxa yezinto zonke ezingendawo abezenzile uHerode,
3:20b.LUK.003.020 wongezelela nale kuzo zonke, yokuba amvalele entolongweni uYohane.
3:21b.LUK.003.021 Ke kaloku kwathi, ekubeni bebhaptiziwe abantu bonke, ebhaptiziwe naye uYesu, ethandaza nokuthandaza, lasuka lavuleka izulu,
3:22b.LUK.003.022 wehla phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele, enembonakalo yomzimba onjengehobe. Kweza nezwi eliphuma ezulwini lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguwe.
3:23b.LUK.003.023 Waye uYesu eminyaka ngathi imashumi mathathu ezelwe, ukuqala kwakhe ukufundisa, engobe kusithiwa ngunyana kaYosefu, kaHeli,
3:24b.LUK.003.024 kaMatati, kaLevi, kaMeleki, kaYana, kaYosefu,
3:25b.LUK.003.025 kaMatatiya, ka-Amos, kaNahum, kaEsli, kaNagayi,
3:26b.LUK.003.026 kaMahati, kaMatatiya, kaShimehi, kaYosefu, kaYuda,
3:27b.LUK.003.027 kaYohanan, kaResha, kaZerubhabheli, kaShalatiyeli, kaNeri,
3:28b.LUK.003.028 kaMeleki, ka-Adi, kaKosam, kaElmodam, kaEre,
3:29b.LUK.003.029 kaYose, kaEliyezere, kaYoram, kaMatati, kaLevi,
3:30b.LUK.003.030 kaSimon, kaYuda, kaYosefu, kaYonan, kaEliyakim,
3:31b.LUK.003.031 kaMaleya, kaMina, kaMatata, kaNatan, kaDavide,
3:32b.LUK.003.032 kaYese, kaObhede, kaBhohazi, kaSalemon kaNashon,
3:33b.LUK.003.033 ka-Aminadabhi, ka-Aram, kaHetseron, kaPeretse, kaYuda,
3:34b.LUK.003.034 kaYakobi, kaIsake, ka-Abraham, kaTera, kaNahore,
3:35b.LUK.003.035 kaSerugi, kaRehu, kaPelege, kaHebhere, kaShela,
3:36b.LUK.003.036 kaKenan, ka-Arpakishadi, kaShem, kaNowa, kaLameki,
3:37b.LUK.003.037 kaMetusela, kaEnoki, kaYerede, kaMahalaleli, kaKenan,
3:38b.LUK.003.038 kaEnos, kaSete, ka-Adam, kaThixo.
4
4:1b.LUK.004.001 Ke kaloku, wathi uYesu, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabuya eYordan, wesiwa nguMoya entlango.
4:2b.LUK.004.002 Wantsuku zimashumi mane ehendwa nguMtyholi. Akadla nto ngezo ntsuku; zakuphela ke, walamba.
4:3b.LUK.004.003 Wathi uMtyholi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho kweli litye libe sisonka.
4:4b.LUK.004.004 UYesu wamphendula esithi, Kubhaliwe kwathiwa, Akungasonka sodwa aya kuphila umntu; kungamazwi onke kaThixo.
4:5b.LUK.004.005 UMtyholi, emnyuse entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zelimiweyo, ngesiquphe sexesha.
4:6b.LUK.004.006 Wathi ke uMtyholi kuye, Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ndiyamnika bona.
4:7b.LUK.004.007 Ukuba ngoko uthe wena waqubuda phambi kwam, konke oko koba kokwakho.
4:8b.LUK.004.008 UYesu wamphendula wathi, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa.
4:9b.LUK.004.009 Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya.
4:10b.LUK.004.010 Kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine;
4:11b.LUK.004.011 kwathiwa, Ziya kukufukula ngezandla, Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho.
4:12b.LUK.004.012 Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho.
4:13b.LUK.004.013 Waza uMtyholi, ekugqibile konke ukuhenda, wesuka kuye umzuzu.
4:14b.LUK.004.014 Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; kwaphuma udaba ngaye, lwaya kuloo mmandla wonke.
4:15b.LUK.004.015 Wabe yena efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke.
4:16b.LUK.004.016 Wafika eNazarete, apho waye ondlelwe khona, wangena ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese.
4:17b.LUK.004.017 Wanikelwa incwadi kaIsaya umprofeti, wathi, akuba eyitwabulule incwadi leyo, wafumana indawo le kubhalwe kuyo kwathiwa,
4:18b.LUK.004.018 UMoya weNkosi uphezu kwam, Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. Indithume ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, Ndindulule abaqobekileyo bekhululekile,
4:19b.LUK.004.019 Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi.
4:20b.LUK.004.020 Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye.
4:21b.LUK.004.021 Waqala ke ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu.
4:22b.LUK.004.022 Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe; babesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu?
4:23b.LUK.004.023 Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuve kwenzeke eKapernahum, kwenze nakowenu apha.
4:24b.LUK.004.024 Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo.
4:25b.LUK.004.025 Kodwa inene ndithi kuni, Babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalivingcekile izulu iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, xeshikweni kwakukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe;
4:26b.LUK.004.026 kanti uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela.
4:27b.LUK.004.027 Kanjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngexesha likaElisha umprofeti; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo, yaba nguNahaman umSiriya kwaba kuphela.
4:28b.LUK.004.028 Bazala ngumsindo bonke ababesendlwini yesikhungu, bakuziva ezo zinto.
4:29b.LUK.004.029 Besuka bamkhuphela ngaphandle komzi, bamrholela elungqamekweni lwentaba, owakhelwe kuyo umzi wabo, ukuze bamphose ezantsi eweni.
4:30b.LUK.004.030 Usuke yena wacanda phakathi kwabo, wemka.
4:31b.LUK.004.031 Wehla waya eKapernahum, umzi welaseGalili; wayebafundisa ngesabatha.
4:32b.LUK.004.032 Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.
4:33b.LUK.004.033 Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo;
4:34b.LUK.004.034 wakhala ngezwi elikhulu, esithi, Yoo! yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.
4:35b.LUK.004.035 Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga.
4:36b.LUK.004.036 Besuka bathi qhiphu umbilini bonke, baye bethetha bodwa besithi, Lilizwi lini na eli, le nto abathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume?
4:37b.LUK.004.037 Lwaye luphuma udaba lwakhe, lusiya kuzo zonke iindawo zaloo mmandla.
4:38b.LUK.004.038 Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe yicesina enkulu; bambika kuye.
4:39b.LUK.004.039 Wema phezu kwakhe, wayikhalimela icesina, yamyeka; evukile ke kwangoko, wamana ebalungiselela.
4:40b.LUK.004.040 Kuthe ke bakubon ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazisa kuye; wazibeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa.
4:41b.LUK.004.041 Zaye ke needemon ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu, uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; ngokuba bezimazi ukuba unguye uKristu.
4:42b.LUK.004.042 Kwakusa, waphuma waya endaweni eyintlango; zaye izihlwele zimfuna, zada zaza kufika kuye; zazimbambezela ukuba angemki kuzo.
4:43b.LUK.004.043 Uthe ke kuzo, Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko.
4:44b.LUK.004.044 Waye ezivakalisa ke ezindlwini zesikhungu zelaseGalili.
5
5:1b.LUK.005.001 Ke kaloku kuthe, ekubeni zimxinile izihlwele, ziza kuva ilizwi likaThixo, wesuka wema ngasedikeni laseGenesarete.
5:2b.LUK.005.002 Wabona imikhombe emibini imi ngasedikeni apho; babe ke ababambisi beentlanzi bephumile kuyo, behlamba iminatha yabo.
5:3b.LUK.005.003 Wathi ke, engene komnye umkhombe, owawungokaSimon, wamcela ukuba akhe akhwelelise kancinane emhlabeni; waza, ehleli phantsi, wamana ezifundisa izihlwele esemkhombeni apho.
5:4b.LUK.005.004 Akupheza ke ukuthetha, wathi kuSimon, Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe.
5:5b.LUK.005.005 Waphendula uSimon wathi kuye, Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha.
5:6b.LUK.005.006 Bathi, bakukwenza oko, bavingcela inkitha enkulu yeentlanzi; wawuqhaqheka ke umnatha wabo.
5:7b.LUK.005.007 Bakhoba amahlulelana abo, abekomnye umkhombe, ukuba eze kuncedisana nabo. Beza, bayizalisa imikhombe yomibini, yada yafuna ukutshona.
5:8b.LUK.005.008 Uthe ke akukubona oko uSimon Petros, wawa emadolweni kaYesu, esithi, Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi.
5:9b.LUK.005.009 Kuba wathi makatha, kwanabo bonke ababenaye, ngobanjiso lweentlanzi ezo bazibambisayo.
5:10b.LUK.005.010 Baba kwanjalo ke noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengamadlelane noSimon. UYesu wathi kuSimon, Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu.
5:11b.LUK.005.011 Bakuyifikisa imikhombe emhlabeni, bashiya into yonke, bamlandela.
5:12b.LUK.005.012 Kwathi ekomnye umzi, babona ngendoda ezele liqhenqa; yathi yakumbona uYesu, yawa ngobuso, yamkhunga, isithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.
5:13b.LUK.005.013 Wasolula isandla, wayichukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lathi kwaoko iqhenqa lemka kuyo.
5:14b.LUK.005.014 Wayithethela yena ngelithi, mayingaxeleli bani. Wathi, Yiya kuzibonisa kumbingeleli, usondeze idini, ngenxa yokuhlanjululwa kwakho, njengoko wamisayo uMoses, kube bubungqina kubo.
5:15b.LUK.005.015 Kwaba kukhona ke luhlakazekayo udaba ngaye; kwaye kubuthelana izihlwele ezikhulu ukuza kuphulaphula, nokuphiliswa nguye ebulwelweni bazo.
5:16b.LUK.005.016 Waye ke yena emana ukuzisithelisa ezindaweni eziziintlango, athandaze.
5:17b.LUK.005.017 Kwathi ke ngamini ithile wafundisa. Kwaye kuhleli abaFarisi nabafundisi-mthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, neyelakwaYuda, naseYerusalem; aye ekho amandla eNkosi ukuba abaphilise.
5:18b.LUK.005.018 Kwabonakala amadoda ethwele ngokhuko umntu onedumbe; ayefuna ukumngenisa, ambeke phambi kwakhe.
5:19b.LUK.005.019 Athi, akuba engafumani ndawo angamngenisa ngayo ngenxa yesihlwele, akhwela phezu kwendlu, agqobhoza ezifulelweni, amhlisa ndawonye nokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu.
5:20b.LUK.005.020 Akulubona ke ukholo lwawo, wathi kuye, Mntundini, uzixolelwe izono zakho.
5:21b.LUK.005.021 Baqala ukucamanga ababhali nabaFarisi, besithi, Ngubani na lo uthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa?
5:22b.LUK.005.022 Eziqiqile ke uYesu izicamango zabo, waphendula wathi kubo, Nicamanga ntoni na ezintliziyweni zenu?
5:23b.LUK.005.023 Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi, Uzixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe?
5:24b.LUK.005.024 Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.
5:25b.LUK.005.025 Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo.
5:26b.LUK.005.026 Besuka bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, bazala kukoyika, besithi, Sibone izanga namhlanje.
5:27b.LUK.005.027 Ke kaloku, emveni kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele.
5:28b.LUK.005.028 Washiya konke, wesuka wamlandela.
5:29b.LUK.005.029 Waza uLevi wamenzela isidlo esikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho iqela elikhulu lababuthi berhafu nelabanye, ababehleli ngasesithebeni nabo.
5:30b.LUK.005.030 Baye ababhali babo nabaFarisi bebakrokrela abafundi bakhe, besithi, Kungani na ukuba nidle nisele nababuthi berhafu naboni?
5:31b.LUK.005.031 Waphendula uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo.
5:32b.LUK.005.032 Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.
5:33b.LUK.005.033 Ke kaloku bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze nezikhungo; benjenjalo nababaFarisi; kanti ke bona abakho bayadla basele?
5:34b.LUK.005.034 Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa asenabo umyeni?
5:35b.LUK.005.035 Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla.
5:36b.LUK.005.036 Ke kaloku wabethetha nomzekeliso kubo esithi, Akukho ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye woba ukrazula leyo intsha, sithi nesiziba eso sentsha singavumani nendala.
5:37b.LUK.005.037 Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye yozigqabhuza iintsuba iwayini entsha, iphalale yona, zitshabalale neentsuba.
5:38b.LUK.005.038 Yona iwayini entsha ifanele ukuthiwa ezintsubeni ezintsha zigcinakale ezo zinto zombini.
5:39b.LUK.005.039 Kanjalo akukho uthi, ebesele endala, athande entsha kwaoko; ngokuba uthi, Endala yeyona inencasa.
6
6:1b.LUK.006.001 Kwathi ngesabatha ethile, wacanda emasi mini; baye abafundi bakhe besikha izikhwebu, bazidla, bezihlikihla ngezandla.
6:2b.LUK.006.002 Bathe ke abathile babaFarisi kubo, Yini na ukuba nenze oko kungavumelekileyo ngesabatha?
6:3b.LUK.006.003 Wabaphendula uYesu wathi, Anikhanga nikulese na oko wakwenzayo uDavide, mhlenikweni walambayo, yena nabo babenaye?
6:4b.LUK.006.004 Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwe phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ezo ke kungavumelekileyo ukuba zidliwe bantu, ingengabo ababingeleli bodwa?
6:5b.LUK.006.005 Wayesithi kubo, uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.
6:6b.LUK.006.006 Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene.
6:7b.LUK.006.007 Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela.
6:8b.LUK.006.008 Kodwa yena ebezazi izicamango zabo, wathi kuloo mntu usandla somileyo, Phakama, umele phakathi. Usukile ke wema.
6:9b.LUK.006.009 Uthe ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza into: okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na?
6:10b.LUK.006.010 Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo ke; sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye.
6:11b.LUK.006.011 Basuka ke bona baphambana ngumsindo; babethethana bodwa, ukuba bangamenza ntoni na uYesu.
6:12b.LUK.006.012 Kwathi ke ngaloo mihla, waphuma wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wayebudlulisa ubusuku bonke ngokuthandaza kuThixo.
6:13b.LUK.006.013 Kwathi kwakusa, wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo balishumi elinababini, awathi kananjalo wabathiya elokuba ngabapostile:
6:14b.LUK.006.014 uSimon, awamthiya nelokuba nguPetros, noAndreya, umzalwana wakhe; uYakobi noYohane; uFilipu noBhartolomeyu;
6:15b.LUK.006.015 uMateyu noTomas; uYakobi, lo ka-Alifeyu, noSimon, ekuthiwa ngumZeloti;
6:16b.LUK.006.016 uYuda kaYakobi, noYuda Sikariyoti, owaba ngumngcatshi.
6:17b.LUK.006.017 Wehla nabo, wema endaweni ethe tyaba, neqela labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaYuda, naseYerusalem, nakulo ilizwe elingaselwandle laseTire neTsidon, ababeza kumva, nokuba baphiliswe kuzo izifo zabo;
6:18b.LUK.006.018 nabo babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa.
6:19b.LUK.006.019 Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke.
6:20b.LUK.006.020 Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi, Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo.
6:21b.LUK.006.021 Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka.
6:22b.LUK.006.022 Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu.
6:23b.LUK.006.023 Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.
6:24b.LUK.006.024 Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifincile intuthuzelo yenu.
6:25b.LUK.006.025 Yeha, nina nihluthiyo! ngokuba niya kulamba. Yeha, nina nihlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile.
6:26b.LUK.006.026 Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.
6:27b.LUK.006.027 Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo.
6:28b.LUK.006.028 Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.
6:29b.LUK.006.029 Lowo ukubetha esidleleni, mnikele nesinye; nothabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi.
6:30b.LUK.006.030 Bonke ke abacela kuwe, baphe; kothabatha izinto zakho, ungabuye uzibize.
6:31b.LUK.006.031 Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo.
6:32b.LUK.006.032 Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni bayabathanda abo babathandayo.
6:33b.LUK.006.033 Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni benza kwaloo nto.
6:34b.LUK.006.034 Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuya nizuze kubo, ninambulelo mni na? Kuba naboni bayababoleka aboni, ukuze babuye bazuze kwangangoko.
6:35b.LUK.006.035 Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.
6:36b.LUK.006.036 Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.
6:37b.LUK.006.037 Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; khululani, naniya kukhululwa.
6:38b.LUK.006.038 Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu; kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.
6:39b.LUK.006.039 Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo, esithi, ingakhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kuthi na zombini zeyele emhadini?
6:40b.LUK.006.040 Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke olungiswe kwaphela, uya kuba njengomfundisi wakhe.
6:41b.LUK.006.041 Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti ke wona umqadi okwelakho iliso akuwuqiqi?
6:42b.LUK.006.042 Ungathini na ukuba nako ukuthi kumzalwana wakho, Mzalwana, yeka ndisikhuphe isibi esisesweni lakho, ungawuboni nje wena umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.
6:43b.LUK.006.043 Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibi; kanjalo akukho mthi mbi uvelisa isiqhamo esihle.
6:44b.LUK.006.044 Kuba umthi wonke waziwa ngesiqhamo sawo; kuba kungakhiwa makhiwane emithaneni enameva, kanjalo kungabuthwa diliya equnubeni.
6:45b.LUK.006.045 Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
6:46b.LUK.006.046 Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi, Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo?
6:47b.LUK.006.047 Wonke ke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, ndonibonisa lowo afana naye.
6:48b.LUK.006.048 Ufana nomntu owakha indlu, wemba wangxoka isiseko, wasibeka phezu kolwalwa. Kwathi, kwakubakho umkhukula, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; kuba ibisekwe phezu kolwalwa olo.
6:49b.LUK.006.049 Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwathi ukuwa kwaloo ndlu kwakukhulu.
7
7:1b.LUK.007.001 Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum.
7:2b.LUK.007.002 Waye ke umkhonzi womthetheli-khulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha.
7:3b.LUK.007.003 Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathuma kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumsindisa umkhonzi wakhe.
7:4b.LUK.007.004 Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Ukufanele oko lowo ungamenzelayo oko;
7:5b.LUK.007.005 kuba uyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu yena.
7:6b.LUK.007.006 Wahamba ke uYesu nabo. Akubon ukuba ke akasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam;
7:7b.LUK.007.007 kungoko nam ndingakufanelanga ukuda ndize; thetha ngezwi lodwa, wophiliswa umkhonzi wam;
7:8b.LUK.007.008 kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze.
7:9b.LUK.007.009 Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, waguqukela kwindimbane ebimlandela, wathi, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.
7:10b.LUK.007.010 Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile.
7:11b.LUK.007.011 Kwathi ngomhla olandelayo, waya emzini ekuthiwa yiNayin. Kwaye kuhamba naye iqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu.
7:12b.LUK.007.012 Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye.
7:13b.LUK.007.013 Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila.
7:14b.LUK.007.014 Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Yathi, Ndodana, ndithi kuwe, Vuka.
7:15b.LUK.007.015 Wavuka wahlala umfi lowo, waza ke wathetha. Yamnikela ke kunina.
7:16b.LUK.007.016 Bangenwa ke kukoyika bonke. Babemzukisa uThixo, besithi, Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu; besithi, Ubavelele uThixo abantu bakhe.
7:17b.LUK.007.017 Lwaphuma ke olo ludaba lungaye, lwahamba kwelakwaYuda liphela, nakuloo mmandla wonke.
7:18b.LUK.007.018 Bazibika kuYohane abafundi bakhe zonke ezi zinto.
7:19b.LUK.007.019 Ebizele kuye babini bathile kubafundi bakhe, uYohane wabathuma kuYesu esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na?
7:20b.LUK.007.020 Efikile ke kuye amadoda lawo, athi, UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na?
7:21b.LUK.007.021 Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo, wathi iimfama ezininzi wazibabala ukubona.
7:22b.LUK.007.022 Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo.
7:23b.LUK.007.023 Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.
7:24b.LUK.007.024 Ke kaloku, bakubon ukuba bemkile abathunywa bakaYohane, waqala wathi kwisihlwele ngaye uYohane, Naye niphume naya kubona ntoni na entlango? Yaye iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya?
7:25b.LUK.007.025 Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo eziqaqambileyo, badle ubuncwane, ngabasezindlwini zookumkani.
7:26b.LUK.007.026 Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye igumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti.
7:27b.LUK.007.027 Lo ngulowo kubhaliweyo ngaye kwathiwa, Niyabona, mna ndiyamthuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.
7:28b.LUK.007.028 Kuba ndithi kuni, Akukho namnye, kwabazelweyo ngabafazi, umprofeti omkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinanana kwabanye ebukumkanini bukaThixo, mkhulu kunaye.
7:29b.LUK.007.029 Bathi bonke abantu, bakuva, nababuthi berhafu, bagwebela uThixo, bebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane.
7:30b.LUK.007.030 Ke bona abaFarisi nabaqondisi-mthetho bazitshitshisela icebo likaThixo, kuba bengabhaptizwanga nguye.
7:31b.LUK.007.031 Ithe ke iNkosi, Ndiya kubafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana? Bafana nantoni na?
7:32b.LUK.007.032 Bafana nabantwana abahleli endaweni yembutho, bekhwazana besithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina analila.
7:33b.LUK.007.033 Kuba uzile uYohane umbhaptizi engadli sonka, engaseli wayini; nithi ke, Unedemon.
7:34b.LUK.007.034 Uzile uNyana woMntu esidla, esela; nithi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu nowaboni!
7:35b.LUK.007.035 Noko ke ubulumko bugwetyelwe kokuphuma ebantwaneni babo bonke.
7:36b.LUK.007.036 Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wangqengqa.
7:37b.LUK.007.037 Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni; wathi, akwazi ukuba uhleli endlwini yomFarisi, wazisa ihlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo.
7:38b.LUK.007.038 Wema ezinyaweni zakhe ngasemva, elila; waqala ukuzinyela iinyawo zakhe ngeenyembezi, ezisula ngeenwele zentloko yakhe, ezanga kakhulu iinyawo zakhe, ezithambisa ngamafutha lawo.
7:39b.LUK.007.039 Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni.
7:40b.LUK.007.040 Waphendula uYesu wathi kuye, Hina, Simon, ndinendawo yokuthetha kuwe. (Athi ke yena, Thetha, Mfundisi.)
7:41b.LUK.007.041 Kwaye kukho mboleki-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye; omnye wayenetyala leedenariyo ezimakhulu mahlanu, omnye ke zimashumi mahlanu.
7:42b.LUK.007.042 Bakuba ke bengenanto yokuhlawula, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi na kubo oya kumthanda ngokungaphezulu?
7:43b.LUK.007.043 Waphendula uSimon wathi, Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu. Wathi ke yena kuye, Wahlule walungisa.
7:44b.LUK.007.044 Wajika wakhangela kumfazi, wathi kuSimon, Uyambona na lo mfazi? Ndingene endlwini yakho, akundinikanga manzi eenyawo zam; ke yena uzinyele iinyawo zam ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zentloko yakhe.
7:45b.LUK.007.045 Akundanganga wena; ke yena, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukuzanga kakhulu iinyawo zam.
7:46b.LUK.007.046 Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo.
7:47b.LUK.007.047 Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ngokuba uthande kakhulu; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane.
7:48b.LUK.007.048 Wathi ke kuye, Zixolelwe izono zakho.
7:49b.LUK.007.049 Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo uxolela nezono?
7:50b.LUK.007.050 Uthe ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile, hamba ngoxolo.
8
8:1b.LUK.008.001 Kwathi emva koko, wayihamba imizi ngemizi, nemizana ngemizana, ezivakalisa ezishumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo; babenaye abalishumi elinababini.
8:2b.LUK.008.002 Nabafazi abathile ababephiliswe koomoya abangendawo nasebulwelweni, uMariya okuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iidemon zosixhenxe,
8:3b.LUK.008.003 noYohana, umfazi kaKuza, igosa likaHerode, noSusana, nabanye abaninzi; bona babemlungiselela ngeempahla zabo.
8:4b.LUK.008.004 Ke kaloku, kwakubon ukuba kuntontelene isihlwele esikhulu, bathi nabemizi ngemizi bawomela kuye. Wathi ngomzekeliso,
8:5b.LUK.008.005 Umhlwayeli waphuma waya kuyihlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe yawa enye ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zezulu zayidla zayigqiba.
8:6b.LUK.008.006 Yimbi yawa elulwalweni, yathi isahluma, yatsha ngenxa yokuba ibingenakunyakama.
8:7b.LUK.008.007 Yimbi yawa phakathi kwemithana enameva, yasuka imithana enameva yahluma kunye nayo, yayiminxa.
8:8b.LUK.008.008 Yimbi yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yahluma, yavelisa isiqhamo kalikhulu. Uthe ezithetha ezi zinto, waye edanduluka esithi, Lowo uneendlebe zokuva makeve.
8:9b.LUK.008.009 Baye ke abafundi bakhe bembuza besithi, Ungaba uyintoni na lo mzekeliso?
8:10b.LUK.008.010 Uthe ke yena, Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bukaThixo; ke kwabanye bona kungemizekeliso, ukuze bebona nje bangaboni, besiva nje bangaqondi.
8:11b.LUK.008.011 Ke kaloku umzekeliso nguwo lo:
8:12b.LUK.008.012 Imbewu le lilizwi likaThixo. Abo ke bangasendleleni ngabo bevayo, andule afike uMtyholi, alisuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakholwa basindiswe.
8:13b.LUK.008.013 Abo ke baselulwalweni ngabasakuthi, bakuliva, balamkele ngovuyo ilizwi; aba ke abanangcambu; bona bakholwa umzuzwana, ze bathi ngexa lokuhendwa balahle.
8:14b.LUK.008.014 Leyo ke yawayo emithaneni enameva, ngabo bathi, belivile, bahambe benamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baminxwe, baze bangavelisi siqhamo.
8:15b.LUK.008.015 Ke leyo isemhlabeni omhle, ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise iziqhamo benomonde.
8:16b.LUK.008.016 Akukho ke uthi, esilumekile isibane, asisibeke ngesitya, athi mhlawumbi asibeke ngaphantsi kwesingqengqelo; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya.
8:17b.LUK.008.017 Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakala; kanjalo akukho ifihlakeleyo ingayi kwazeka, ize ekuhleni.
8:18b.LUK.008.018 Lumkani ngoko ukuva eniva ngako., kuba osukuba enako, uya kunikwa; nosukuba engenako, uya kuhluthwa noko ngathi unako.
8:19b.LUK.008.019 Ke kaloku kwafika kuye unina nabazalwana bakhe, baza ababa nako ukufikelela kuye ngenxa yesihlwele.
8:20b.LUK.008.020 Wabikelwa ke, kusithiwa, Unyoko nabazalwana bakho bemi ngaphandle, befuna ukukubona.
8:21b.LUK.008.021 Waphendula ke yena wathi kubo, Uma nabazalwana bam ngaba bona balivayo ilizwi likaThixo, balenze.
8:22b.LUK.008.022 Kwathi ngamhla uthile, waya kungena emkhombeni kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Masiwele, siye ngaphesheya kwedike; banduluka ke.
8:23b.LUK.008.023 Ke kaloku, bakubon ukuba bayahamba ngomkhombe, walala ubuthongo. Kwehla uqhwithela lomoya edikeni apho, waye uzala ngamanzi usengozini.
8:24b.LUK.008.024 Beza ke bamvusa, besithi, Mongameli, Mongameli, satshabalala. Wavuka ke yena, wawukhalimela umoya nokulatyuza kwamaza; zapheza ezo zinto, kwabakho ukuzola.
8:25b.LUK.008.025 Wathi ke kubo, Luphi na ukholo lwenu? Bathe, kuba besoyika, bamangaliswa, besitshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto ayithethela imimoya kwanamanzi, zimlulamele ezo zinto?
8:26b.LUK.008.026 Bahambela ngomkhombe ezweni laseGadara, elikhangelene nelaseGalili.
8:27b.LUK.008.027 Ke kaloku, akuphumela emhlabeni, kwaqubisana naye indoda ethile iphuma emzini, esekukade ineedemon. Yayingambathi ngubo, ingahlali ndlwini, isuka ihlale emangcwabeni.
8:28b.LUK.008.028 Ithe ke yakumbona uYesu, yakhala kunene, yawa phambi kwakhe, yathi ngezwi elikhulu, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kukhunga ukuba ungandithuthumbisi.
8:29b.LUK.008.029 Kuba ebewuthethele umoya ongcolileyo ukuba uphume emntwini lowo. Kuba bekuba futhi umthi hlasi; wayebotshwa ngemixokelelwane nangamakhamandela, egciniwe; asuke azijace izibophelelo aqhutyelwe yidemon entlango.
8:30b.LUK.008.030 UYesu wambuza ke esithi, Ungubani na igama lakho? Uthe ke yena, NdinguMkhosi; kuba kwakungene kuye iidemon ezininzi.
8:31b.LUK.008.031 Wayembongoza ukuba angazithetheli ziye kungena enzonzobileni.
8:32b.LUK.008.032 Bekukho ke apho ugxuba lweehagu ezininzi, lusidla entabeni; zaye zimbongoza, ukuba azivumele ziye kungena kuzo. Wazivumela ke.
8:33b.LUK.008.033 Ziphumile ke iidemon emtwini lowo, zangena ezihagwini; lwaza ugxuba olo lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela edikeni, lwarhaxwa.
8:34b.LUK.008.034 Bakukubona ke okuhlileyo abo babezalusa, basaba, baya babika ekhaya nasemaphandleni.
8:35b.LUK.008.035 Baphuma ke abantu, baya kukubona okuhlileyo; beza kuYesu, bamfumana ehleli umntu lowo, beziphume kuye iidemon, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo, engasezinyaweni zikaYesu; baza boyika.
8:36b.LUK.008.036 Bathi ke nabo babonileyo, bababikela ukuba uthiweni na ukuphiliswa obephethwe ziidemon.
8:37b.LUK.008.037 Yamcela yonke inkitha yommandla wabaseGadara, ukuba emke kubo; ngokuba babebanjwe kukoyika okukhulu. Uthe ke yena, engene emkhombeni, wabuya.
8:38b.LUK.008.038 Ke kaloku indoda leyo, zaye ziphume kuyo iidemon, yayimkhunga ukuba ibe naye. Ke yena uYesu wayindulula, esithi,
8:39b.LUK.008.039 Buyela endlwini yakho, ubacacisele oko zingako izinto uThixo akwenzele zona. Yemka, yavakalisa kuwo wonke umzi oko zingako izinto uYesu ayenzele zona.
8:40b.LUK.008.040 Kwathi ke kaloku, ekubuyeni kukaYesu, zamamkela izihlwele; kuba bonke babemlindile.
8:41b.LUK.008.041 Kwabonakala kusiza indoda egama linguYayiro; yaye yona ingumphathi wendlu yesikhungu. Yawa ezinyaweni zikaYesu, yayimbongoza ukuba eze endlwini yayo.
8:42b.LUK.008.042 Kuba yabe inentombi, iyizala inye, eminyaka ngathi ilishumi linamibini izelwe; yaye yona iqhawuka. Ke kaloku, ekuyeni kwakhe apho, izihlwele bezimxinile.
8:43b.LUK.008.043 Nentokazi eyayinethombo legazi iminyaka elishumi linamibini, eyayithe yona phezu koko yadleka impahla yayo iphela ngamagqirha, ayaba nako ukuphiliswa bani,
8:44b.LUK.008.044 yeza ngasemva, yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe, lee qoko kwangoko ithombo legazi layo.
8:45b.LUK.008.045 Wathi uYesu, Ngubani na lo undichukumisileyo? Bakuba bekhanyela bonke, wathi uPetros nabo babenaye, Mongameli, izihlwele zikuxina, zikukhandanisa nje, uthi na, Ngubani na lo undichukumisileyo?
8:46b.LUK.008.046 Uthe ke uYesu, Ukho ondichukumisileyo; kuba mna ndiyawazi amandla aphumileyo kum.
8:47b.LUK.008.047 Ithe ke intokazi leyo, yakubona ukuba ayifihlakele, yeza igubha, yawa phambi kwakhe, yaxela emehlweni abo bonke abantu, ukuba bekungasizathu sini na ebimchukumisile, nokuphiliswa kwayo kwangoko.
8:48b.LUK.008.048 Uthe ke yena kuyo, Yomelela, ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo.
8:49b.LUK.008.049 Kuthi, esathetha, kufike othile, evela kwamphathi-ndlu yesikhungu, esithi kuye, Ibhubhile intombi yakho; musa ukumkhathaza uMfundisi.
8:50b.LUK.008.050 Ekuvile ke oko uYesu, umphendule wathi, Musa ukoyika; kholwa wena kuphela, yosindiswa.
8:51b.LUK.008.051 Ke kaloku, engenile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene naye, kwaba kuphela nguPetros, noYohane, noYakobi, noyise wentombi, nonina.
8:52b.LUK.008.052 Baye ke bonke belila, beyimbambazelela. Wathi ke yena, Musani ukulila; ayifile, ilele nje kodwa.
8:53b.LUK.008.053 Basuka bamwa ngeentsini, besazi ukuba ifile.
8:54b.LUK.008.054 Uthe ke yena, wabakhuphela phandle bonke, wayibamba ngesandla, wabiza esithi, Ntombi, vuka.
8:55b.LUK.008.055 Wabuya umoya wayo, yesuka yema kwangoko; wamisa ukuthi mayinikwe into, idle.
8:56b.LUK.008.056 Besuka abazali bayo bathi nqa; wabathethela ukuba bangakuxeleli bani okuhlileyo.
9
9:1b.LUK.009.001 Ke kaloku, ebabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika amandla negunya kuzo zonke iidemon, nokuphilisa izifo.
9:2b.LUK.009.002 Wabathuma ukuba babuvakalise ubukumkani bukaThixo, bayiphilise imilwelwe.
9:3b.LUK.009.003 Wathi kubo, Ningaphathi nto yandlela, namisimelelo, nangxowa yamphako, nasonka, namali, ningabi nangubo zangaphantsi ngambini;
9:4b.LUK.009.004 nasendlwini enithe nangena kuyo, hlalani khona, ukumka nisuke khona.
9:5b.LUK.009.005 Abo sukuba benganamkeli, yithini nakuphuma kuloo mzi, niluvuthulule nothuli ezinyaweni zenu, kube bubungqina oko kubo.
9:6b.LUK.009.006 Bephumile ke, bayihambahamba imizana, bezishumayela iindaba ezilungileyo, bephilisa ezindaweni zonke.
9:7b.LUK.009.007 Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waziva zonke izinto ezenziwayo nguye; wesuka wathingaza, ngenxa yokuba bekusithiwa ngabanye, Kuvuke uYohane kwabafileyo;
9:8b.LUK.009.008 kuthiwe ke ngabanye, Kubonakale uEliya; kuthiwe ngabanye, Kubuye kwavuka umprofeti wakuwo amanyange.
9:9b.LUK.009.009 Wathi uHerode, UYohane mna ndamnqamla intloko; lo ke ngubani na, ndiva kuthethwa izinto ezinje ngaye. Wayefuna ke ukumbona.
9:10b.LUK.009.010 Bebuyile abapostile, bamcacisela ukuba zinkulu kwezinto ababezenzile. Wabathabatha, wasithela endaweni eyintlango yomzi okuthiwa yiBhetesayida.
9:11b.LUK.009.011 Zithe ke zakwazi izihlwele, zamlandela. Wazamkela ke; wayethetha kuzo ngabo ubukumkani bukaThixo; wayebaphilisa ababeswele impilo.
9:12b.LUK.009.012 Ke kaloku yaqala ukumka imini. Beza ke abalishumi elinababini, bathi kuye, Zindulule izihlwele, ukuze bemke, baye emizini ejikelezileyo, nasemaphandleni, balale, ze bafumane into edliwayo; ngokuba apha sikwindawo eyintlango.
9:13b.LUK.009.013 Uthe ke kubo, Bapheni nina badle. Bathi ke bona, Akukho nto sinayo ingaphezu kwezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini; singaba kambe siya kuya sibathengele izinto ezidliwayo bonke aba bantu.
9:14b.LUK.009.014 Kuba amadoda ngathi ayemawaka mahlanu. Wathi ke kubafundi bakhe, Bangqengqiseni, babe yimityino emashumi ngamahlanu.
9:15b.LUK.009.015 Benjenjalo, babangqengqisa bonke.
9:16b.LUK.009.016 Ezithabathile ke izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wakhangela ezulwini, wazisikelela, waqhekeza; wamana enika abafundi, ukuba babeke ezihlweleni.
9:17b.LUK.009.017 Badla bahlutha bonke; kwasuswa okuseleyo kubo izitya zamaqhekeza zalishumi elinazibini.
9:18b.LUK.009.018 Ke kaloku kwathi, ekubeni ethandaza eyedwa, bantontelana kuye abafundi, wabuza kubo, esithi, Izihlwele ezi zithi ndingubani na?
9:19b.LUK.009.019 Baphendula ke bona, bathi, Zithi unguYohane umbhaptizi; abanye ke bathi unguEliya; abanye ke bathi, kubuye kwavuka mprofeti uthile kumanyange.
9:20b.LUK.009.020 Uthe ke kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Waphendula ke uPetros wathi, Unguye uKristu kaThixo.
9:21b.LUK.009.021 Wabakhalimela ke, ebathethela ngelithi, le nto mabangayithethi nakubani; esithi,
9:22b.LUK.009.022 UNyana woMntu umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu, avuke.
9:23b.LUK.009.023 Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke.
9:24b.LUK.009.024 Ngokuba osukuba ethanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo.
9:25b.LUK.009.025 Kuba kumnceda ntoni na umntu ukuthi azuze ihlabathi liphela, abe ke ezilahlile, mhlawumbi ezonakalisile?
9:26b.LUK.009.026 Kuba othe waneentloni ngam, nangawo amazwi am, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini bakhe, nobukaYise, nobezithunywa ezingcwele.
9:27b.LUK.009.027 Ndithi ke kuni, Inyaniso, kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa, bade babubone ubukumkani bukaThixo.
9:28b.LUK.009.028 Ke kaloku kuthe, emveni kwezi zinto, malunga neentsuku ezisibhozo, wathabatha uPetros noYohane noYakobi; wenyuka wava entabeni, esiya kuthandaza.
9:29b.LUK.009.029 Kwathi, ekuthandazeni kwakhe, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nengubo yakhe yamhlophe yabengezela.
9:30b.LUK.009.030 Kwabonakala amadoda amabini ethetha naye, engooMoses noEliya,
9:31b.LUK.009.031 ababonakalayo besebuqaqawulini; babethetha ngophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem.
9:32b.LUK.009.032 Ke kaloku uPetros, nabo babenaye, babesindwa bubuthongo; baza ke bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bakhe, naloo madoda mabini abemi naye.
9:33b.LUK.009.033 Ekwahlukaneni kwawo kuye, wathi uPetros kuye uYesu, Mongameli, kuhle ukuba sibe lapha. Masenze ke iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya; watsho engayazi into ayithethayo.
9:34b.LUK.009.034 Kuthe ke, akubon ukuba uthethe ezo zinto, kwabakho ilifu, labenzela ithinzi. Boyika ke ekungeneni kwabo efini apho.
9:35b.LUK.009.035 Kwabakho nezwi liphuma efini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.
9:36b.LUK.009.036 Lakuba libekho izwi elo, wafunyanwa uYesu eyedwa. Bahlala bathi cwaka bona, ababikela mntu ngaloo mihla kwizinto ababezibonile.
9:37b.LUK.009.037 Ke kaloku kuthe ngomhla olandelayo, bakubon ukuba bahlile entabeni, wahlangatyezwa sisihlwele esikhulu.
9:38b.LUK.009.038 Kwabonakala kuvela indoda esihlweleni apho, yankqangaza isithi, Mfundisi, ndiyakukhunga, mbone unyana wam; kuba ndimzele wamnye.
9:39b.LUK.009.039 Uyabona, uthatyathwa ngumoya, akhale kwangesiquphe, umbethe athi xhwenene, ade alephuze amagwebu; Uze uthi, umqobile, umke kuye ngenkankulu.
9:40b.LUK.009.040 Ndabakhunga ke abafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako.
9:41b.LUK.009.041 Waphendula uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndikuni, ndininyamezele? Mzise apha unyana wakho.
9:42b.LUK.009.042 Akubon ukuba useza ke, isuke idemon yamntlala, yambetha, wathi xhwenene kunene. Wawukhalimela ke uYesu umoya ongcolileyo, waphilisa umntwana, wambuyisela kuyise.
9:43b.LUK.009.043 Bakhwankqiswa ke bonke bubungangamela bukaThixo. Bakubon ukuba bamangalisiwe bonke zizinto zonke awazenzayo uYesu, wathi kubafundi bakhe,
9:44b.LUK.009.044 Wabekeleni nina iindlebe la mazwi; kuba uNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu.
9:45b.LUK.009.045 Kodwa bona babengaliqondi eli, lizwi; laye lifihliwe kubo, ukuze bangaliboni. Babesoyika nokumbuza ngalo eli lizwi.
9:46b.LUK.009.046 Ke kaloku kwangena ukucamanga phakathi kwabo kokuthi, angaba ngubani na omkhulu phakathi kwabo.
9:47b.LUK.009.047 Ekubonile ke uYesu ukucamanga kwentliziyo yabo, uthabathe umntwanana, wammisa ngakuye.
9:48b.LUK.009.048 Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo. Kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.
9:49b.LUK.009.049 Waphendula uYohane wathi, Mongameli, sabona othile ekhupha iidemon egameni lakho; samalela, ngokuba engalandelani nathi.
9:50b.LUK.009.050 Wathi uYesu kuye, Musani ukumalela; kuba ongachasene nathi, ungecala lethu.
9:51b.LUK.009.051 Ke kaloku kwathi, yakuzaliseka imihla yokunyuselwa kwakhe phezulu, wazimisela ngokuqinileyo ukuya eYerusalem.
9:52b.LUK.009.052 Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; behambile ke, bangena emzaneni wamaSamariya ukuba bamlungiselele.
9:53b.LUK.009.053 Akamamkela, ngokuba ubuso bakhe bebubheke eYerusalem.
9:54b.LUK.009.054 Bekubonile ke oko abafundi bakhe, ooYakobi noYohane bathe, Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele, njengoko noEliya wenjenjalo?
9:55b.LUK.009.055 Wathi guququ, wabakhalimela wathi, Anazi ukuba ningabomoya onjani na;
9:56b.LUK.009.056 kuba uNyana woMntu engaze kutshabalalisa miphefumlo yabantu, uze kusindisa. Baza baya mzaneni wumbi.
9:57b.LUK.009.057 Kwathi ke, bakubon ukuba bayahamba ngendlela, wathi othile kuye, Ndiya kukulandela, apho uthe waya khona, Nkosi.
9:58b.LUK.009.058 Waza uYesu wathi kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; ke yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko yakhe.
9:59b.LUK.009.059 Wathi ke kuwumbi, Ndilandele. Uthe ke yena, Nkosi, ndivumele khe ndimke, ndiye kungcwaba ubawo kuqala.
9:60b.LUK.009.060 Wathi ke uYesu kuye, Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo.
9:61b.LUK.009.061 Wathi ke nomnye, Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele kuqala, khe ndiye kubulisa abo basendlwini yam.
9:62b.LUK.009.062 Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.
10
10:1b.LUK.010.001 Ke kaloku, emveni kwezi zinto, iNkosi yabalula yamisela abanye kanjalo, bemashumi asixhenxe; yabathuma ngababini phambi kobuso bayo, kuyo yonke imizi neendawo ebiza kuya kuzo yona.
10:2b.LUK.010.002 Yayisithi ngoko kubo, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa; khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.
10:3b.LUK.010.003 Hambani; niyabona, mna ndinithuma njengeemvana phakathi kweengcuka.
10:4b.LUK.010.004 Musani ukuphatha ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada; ningabulisi mntu endleleni.
10:5b.LUK.010.005 Nendlu enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu.
10:6b.LUK.010.006 Ukuba angaba ulapho owoxolo, uxolo lwenu lohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, lobuyela kwakuni.
10:7b.LUK.010.007 Hlalani ke kuloo ndlu, nisidla nisela izinto abanazo; kuba umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuphuma ningena zindlwini.
10:8b.LUK.010.008 Emzini ke enisukuba ningena kuwo, banamkele, yidlani izinto abazibeka phambi kwenu;
10:9b.LUK.010.009 niyiphilise imilwelwe ekhona, nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo.
10:10b.LUK.010.010 Emzini enisukuba ningena kuwo, baneli, phumani niye ezitratweni zawo, nithi,
10:11b.LUK.010.011 Nothuli lomzi wenu olunamathele kuthi, siluvuthululela kuni; kodwa ke kwazini khona oku, ukuba busondele kuni ubukumkani bukaThixo.
10:12b.LUK.010.012 Ndithi ke kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom ngaloo mini, kunokwaloo mzi.
10:13b.LUK.010.013 Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, ingeyaguqukayo kwakudala loo mizi, ihleli ngeengubo ezirhwexayo naseluthuthwini.
10:14b.LUK.010.014 Ewe, koba nokunyamezeleka okweTire nokweTsidon ngomgwebo kunokwenu.
10:15b.LUK.010.015 Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo.
10:16b.LUK.010.016 Lowo univayo nina, uva mna; nalowo unigibayo nina, ugiba mna; lowo ke ugiba mna, ugiba lowo wandithumayo.
10:17b.LUK.010.017 Ke kaloku babuya abamashumi asixhenxe bevuyile, besithi, Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho.
10:18b.LUK.010.018 Uthe ke kubo, Bendimbona uSathana njengombane esiwa ezulwini.
10:19b.LUK.010.019 Niyabona, ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alo utshaba; kanjalo akukho nto ingakhe inenzakalise.
10:20b.LUK.010.020 Noko ke maningakuvuyeli oku, kokuba oomoya benithobele; vuyelani ke kanye okokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.
10:21b.LUK.010.021 Ngelo lixa wagcoba uYesu ngomoya, wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba; ngokuba ezi zinto uzifihlile kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana; ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka kuwe ukuba kube njalo.
10:22b.LUK.010.022 Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, nguYise yedwa; nokuba ungubani na uYise, nguNyana yedwa, nalowo asukuba uNyana ethanda ukumtyhilela.
10:23b.LUK.010.023 Wathi guququ kubafundi bakhe, wathi ngasese, Anethamsanqa wona amehlo abona izinto enizibonayo.
10:24b.LUK.010.024 Kuba ndithi kuni, Baninzi abaprofeti nookumkani ababethande ukubona izinto enizibonayo nina, abazibona; nokuva izinto enizivayo, abaziva.
10:25b.LUK.010.025 Kwabonakala kusuka umqondisi-mthetho othile, emlinga nokumlinga, esithi, Mfundisi, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?
10:26b.LUK.010.026 Uthe ke yena kuye, Emthethweni kubhalwe ntoni na? Ulesa njani na?
10:27b.LUK.010.027 Waphendula ke wathi, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela, nommelwane wakho, njengoko uzithanda ngako.
10:28b.LUK.010.028 Uthe ke kuye, Uphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi.
10:29b.LUK.010.029 Ke kaloku yena, ethanda ukuzigwebela, wathi kuYesu, Ngubani na ongummelwane wam?
10:30b.LUK.010.030 Uphendule ke uYesu, wathi, Umntu othile wayesihla evela eYerusalem, esiya eYeriko. Wagaxeleka ezihangeni, ezambhunyula iingubo, zamngxwelerha, zemka, zimshiya engathi uza kufa.
10:31b.LUK.010.031 Ke kaloku kwathi, kwehla mbingeleli uthile ngaloo ndlela; akumbona, wacezela phaya.
10:32b.LUK.010.032 Kwangokunjalo ke nomLevi, akufika kuloo ndawo, weza wambona, wacezela phaya.
10:33b.LUK.010.033 Uthe ke umSamariya othile, eseluhambeni, waya kuye; wathi, akumbona, wasikwa yimfesane.
10:34b.LUK.010.034 Wafika, wawabopha amanxeba akhe, egalela ioli newayini, wamkhwelisa eqegwini lakhe, wamsa endlwini yabahambi, wamonga.
10:35b.LUK.010.035 Akumka ngengomso, warhola iidenariyo zambini wanika umninindlu, wathi kuye. Uze umonge; nento ongathi ubuye udleke yona, ndokuhlawulela mna ekubuyeni kwam.
10:36b.LUK.010.036 Nguwuphi na kwabo bathathu ngoko, othi wena, waba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?
10:37b.LUK.010.037 Uthe ke yena, Ngulowo wamenzela inceba. Wathi ngoko uYesu kuye, Hamba, uye kwenjenjalo nawe.
10:38b.LUK.010.038 Ke kaloku kwathi, ekuhambeni kwabo, yena wangena mzini uthile, yathi ke intokazi ethile egama linguMarta, yamamkela ngobubele endlwini yayo.
10:39b.LUK.010.039 Yaye ke inomsakwayo obe kuthiwa nguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zikaYesu, emana ukuliphulaphula ilizwi lakhe.
10:40b.LUK.010.040 UMarta ke yena wakruthakrutheka kukulungiselela okuninzi. Wema ke kufuphi wathi, Nkosi, akukhathali na, kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndedwa? Yitsho ke kuye, andincede.
10:41b.LUK.010.041 Waphendula ke uYesu wathi kuye, Marta, Marta, uxhaliswa uphithizeliswa zizinto ezininzi.
10:42b.LUK.010.042 Inye yona into efunekayo; uMariya ke unyule eso sabelo silungileyo, singayi kususwa kuye.
11
11:1b.LUK.011.001 Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi othile wakubafundi bakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe.
11:2b.LUK.011.002 Uthe ke yena kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.
11:3b.LUK.011.003 Siphe imihla yonke isonka sethu semihla ngemihla, usixolele izono zethu;
11:4b.LUK.011.004 kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni; sihlangule enkohlakalweni.
11:5b.LUK.011.005 Wathi kubo, Nguwuphi na kuni ongathi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu;
11:6b.LUK.011.006 kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe;
11:7b.LUK.011.007 aze asuke lowo ungaphakathi aphendule athi, Musa ukundaphula; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike?
11:8b.LUK.011.008 Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo.
11:9b.LUK.011.009 Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa.
11:10b.LUK.011.010 Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa.
11:11b.LUK.011.011 Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; athi akucela intlanzi, amnike inyoka endaweni yentlanzi?
11:12b.LUK.011.012 Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane?
11:13b.LUK.011.013 Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo wasemazulwini, ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?
11:14b.LUK.011.014 Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi ke yakuphuma idemon, sathetha isidenge, zamangaliswa izihlwele.
11:15b.LUK.011.015 Kodwa abathile kubo bathi, Uzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon.
11:16b.LUK.011.016 Baye ke bambi bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma emazulwini.
11:17b.LUK.011.017 Ke kaloku yena, ezazi izicamango zabo, wathi kubo, Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa, buyaphanza; nendlu eyahlulelene nendlu, iyawa.
11:18b.LUK.011.018 Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe? Ngokuba nithi, ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule.
11:19b.LUK.011.019 Ke ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na oonyana benu? Baya kuba ngabagwebi benu bona ngenxa yoko.
11:20b.LUK.011.020 Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.
11:21b.LUK.011.021 Xa lithi igorha lixhobe tu, lilinde ibhotwe lalo, impahla yalo ihlala inqabile;
11:22b.LUK.011.022 kodwa xa lithe elinamandla kunalo lalifikela, laleyisa, lilihlutha sonke isikrweqe salo elabe likholose ngaso, liwabe amaxhoba alo.
11:23b.LUK.011.023 Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha.
11:24b.LUK.011.024 Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela endlwini yam, endaphuma kuyo.
11:25b.LUK.011.025 Uthi wakufika, uyifumane itshayelwe, ivathisiwe.
11:26b.LUK.011.026 Wandule ukuya kuthabatha abanye oomoya abasixhenxe abangendawo kunawo, bangene ke bahlale khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqalo.
11:27b.LUK.011.027 Ke kaloku kwathi, ekuzithetheni kwakhe ezi zinto, intokazi ethile yaliphakamisa izwi layo esihlweleni eso, yathi kuye, Sinoyolo isizalo esakubambayo, nambele owawanyayo.
11:28b.LUK.011.028 Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine.
11:29b.LUK.011.029 Ke kaloku, zakubon ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso; ukanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti.
11:30b.LUK.011.030 Kuba, njengokuba uYona waba ngumqondiso kwabaseNineve, uya kuba kwanjalo uNyana woMntu kwesi sizukulwana.
11:31b.LUK.011.031 Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo namadoda esi sizukulwana, awagwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.
11:32b.LUK.011.032 Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; kuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha.
11:33b.LUK.011.033 Akukho ke uthi, esibanekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, nokuba kuphantsi kwesitya; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya.
11:34b.LUK.011.034 Isibane somzimba liliso. Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; xa lithe lakhohlakala, nomzimba wakho ububumnyama.
11:35b.LUK.011.035 Ngoko xunela ekuthini ukukhanya okukuwe kungabi bubumnyama.
11:36b.LUK.011.036 Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo imnyama, uya kukhanyiseleka uphela, njengaxenikweni sithe isibane sakukhanyisela ngokudangazela kwaso.
11:37b.LUK.011.037 Ke kaloku, akuba ethethile, umFarisi othile wayemcela ukuba aye komulela kuye. Ungenile ke wahlala phantsi.
11:38b.LUK.011.038 Uthe ke akubona oku, umFarisi wamangaliswa kukuba engathanga kuqala ahlambe, phambi kokuba adle.
11:39b.LUK.011.039 Yathi ke iNkosi kuye, Kaloku nina baFarisi nihlambulula umphandle wendebe nesitya, ukanti wona umbilini wenu uzele kukuphanga nokungendawo.
11:40b.LUK.011.040 Basweli-kuqonda, owakwenzayo okungaphandle akakwenzanga na nokungaphakathi?
11:41b.LUK.011.041 Kanye ke izinto ezingaphakathi, lizani ngazo; niyabona, zosuka zonke izinto zihlambuluke kuni.
11:42b.LUK.011.042 Yeha, nina baFarisi! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nezenxina nezemifuno yonke, nize nidlule kuwo umgwebo nokuthanda uThixo; ezi ndawo ke benimelwe kukuthi nizenze, nithi neziya ningazishiyi.
11:43b.LUK.011.043 Yeha, nina baFarisi! Ngokuba nithanda isihlalo sobukhulu ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho.
11:44b.LUK.011.044 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abathi nabantu abahamba phezu kwawo, bangawazi.
11:45b.LUK.011.045 Waphendula ke othile wakubaqondisi-mthetho, wathi kuye, Mfundisi, uzithetha nje ezo zinto, usiphatha kakubi nathi.
11:46b.LUK.011.046 Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisimthetho! Ngokuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu.
11:47b.LUK.011.047 Yeha, nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele.
11:48b.LUK.011.048 Kambe niyayingqinela niyithakazela imisebenzi yooyihlo; ngokuba bona okunene bababulala, niyawakha ke nina amangcwaba abo.
11:49b.LUK.011.049 Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bathi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile; kubo abo ke baya kuyibulala inxenye, bayitshutshise inxenye;
11:50b.LUK.011.050 ukuze limenywe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kuseloko lasekwayo ihlabathi;
11:51b.LUK.011.051 lithabathela egazini lika-Abheli, lide lizise egazini likaZekariya, owatshabalalela phakathi kwesibingelelo nendawo eyingcwele. Ewe, ndithi kuni, liya kumenywa kwesi sizukulwana.
11:52b.LUK.011.052 Yeha nina, baqondisi-mthetho! Ngokuba nasisusa isitshixo sokwazi; nina anangena, nabangenayo nabalela.
11:53b.LUK.011.053 Ke kaloku, akubon ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, baqala ababhali nabaFarisi ukuba nenqala enkulu, nokumcofa ngemibuzo emininzi,
11:54b.LUK.011.054 bemlalele, befuna ukunqakula into ephuma emlonyeni wakhe, ukuze bammangalele.
12
12:1b.LUK.012.001 Phakathi koko, kuthe akubon ukuba ahlanganisene ndawonye amawaka-waka abantu, ngokokude banyathelane, waqala ukuthi kubafundi bakhe, Phambi kwako konke, lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso.
12:2b.LUK.012.002 Akukho nto ke igqunyiweyo, engasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, engasayi kwaziwa.
12:3b.LUK.012.003 Ngenxa enokuba konke enikuthethe emnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; nenikuthethe endlebeni emagumbini, kuya kumenyezwa phezu kwezindlu.
12:4b.LUK.012.004 Ndithi ke kuni, zihlobo zam, Musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi bangayenzayo.
12:5b.LUK.012.005 Ndiya kunibonisa ke enomoyika; yoyikani lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, Yoyikani yena lowo.
12:6b.LUK.012.006 Abathengiswa ngeepeni ezimbini na oongqatyana abahlanu? Ukanti akukho namnye kubo olityelweyo emehlweni kaThixo.
12:7b.LUK.012.007 Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke; musani ukoyika ngoko, nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.
12:8b.LUK.012.008 Ndithi ke kuni, Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, kwanoNyana woMntu uya kumvuma phambi kwezithunywa zikaThixo.
12:9b.LUK.012.009 Ondikhanyeleyo ke emehlweni abantu, wokhanyelwa emehlweni ezithunywa zikaThixo.
12:10b.LUK.012.010 Nomntu wonke oya kuthetha ilizwi elibi ngoNyana woMntu, woxolelwa; kodwa lowo unyelise uMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa.
12:11b.LUK.012.011 Xa sukuba ke benizisa ezindlwini zesikhungu, nakwizilawuli, nakwabanegunya, ize ningaxhaleli ukuba ningaziphendulela ngokunjani na, nangantoni na, nokuba ningathethani na.
12:12b.LUK.012.012 Kuba uMoya oyiNgcwele uya kunifundisa ngalo elo lixa izinto enimelwe kukuthi nithethe zona.
12:13b.LUK.012.013 Ke kaloku uthe ubani kuye endimbaneni, Mfundisi, yitsho kumzalwana wam, ahlulelane nam ilifa.
12:14b.LUK.012.014 Uthe ke yena kuye, Mntundini, ndimiswe ngubani na ukuba ndibe ngumahluli nomabi phakathi kwenu?
12:15b.LUK.012.015 Wathi ke kubo, Lumkani, nizilinde ngasekubaweni; ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe.
12:16b.LUK.012.016 Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu;
12:17b.LUK.012.017 wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam?
12:18b.LUK.012.018 Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke izilimo zam, nezinto zam ezilungileyo;
12:19b.LUK.012.019 ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, yidla, sela, yiba nemihlali.
12:20b.LUK.012.020 Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo?
12:21b.LUK.012.021 Unjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.
12:22b.LUK.012.022 Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na.
12:23b.LUK.012.023 Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha.
12:24b.LUK.012.024 Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka!
12:25b.LUK.012.025 Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye?
12:26b.LUK.012.026 Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye?
12:27b.LUK.012.027 Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ndithi ke kuni, Naye uSolomon, kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathanga nanjenganye yazo ezi.
12:28b.LUK.012.028 Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambesa, wobeka phi na ke kuni, bantundini balukholo luncinane?
12:29b.LUK.012.029 Nani nize ningafuni ukuthi ningadla ntoni na, nisele ntoni na; kanjalo nize ningathingazi;
12:30b.LUK.012.030 ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto.
12:31b.LUK.012.031 Funani ubukumkani bukaThixo nina, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.
12:32b.LUK.012.032 Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.
12:33b.LUK.012.033 Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo; zenzeleni iingxowa zemali ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisiyo nanundu;
12:34b.LUK.012.034 kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
12:35b.LUK.012.035 Mazibe zibhinqiwe izinqe zenu, nezibane zenu zivutha;
12:36b.LUK.012.036 nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze bathi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko.
12:37b.LUK.012.037 Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele.
12:38b.LUK.012.038 Nokuba ithe yeza ngowesibini umlindo wobusuku, nokuba ithe yeza ngowesithathu umlindo, yafika kunjalo, banoyolo abo bakhonzi.
12:39b.LUK.012.039 Kwazini ke oku, ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela liza ngaliphi na ilixa, ange elindile, akayiyekela indlu yakhe igqojozwe.
12:40b.LUK.012.040 Nani ngoko yibani nilungile; ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.
12:41b.LUK.012.041 Wathi ke uPetros kuye, Nkosi, lo mzekeliso uwuthetha kuthi, uwuthetha kubo bonke, kusini na?
12:42b.LUK.012.042 Ithe ke iNkosi, Ngubani na ke elo gosa lithembekileyo, liqondileyo, eyothi inkosi ilimise phezu kwabendlu yayo, ukuze libanike umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo?
12:43b.LUK.012.043 Unoyolo loo mkhonzi eyothi, yakufika inkosi yakhe, imfumane esenjenjalo.
12:44b.LUK.012.044 Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.
12:45b.LUK.012.045 Ukuba ke loo mkhonzi uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; aze aqale azibethe izicaka nezicakakazi, adle, asele, anxile:
12:46b.LUK.012.046 yofika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayilindeleyo, nangelixa angalaziyo, ize imnqumle kubini, immisele isabelo sakhe nabangathembekileyo.
12:47b.LUK.012.047 Yena ke loo mkhonzi, ubekwazi ukuthanda kwenkosi yakhe, akalungisa, akenza ngokuthanda kwayo, uya kutyatyulwa ngemivumbo emininzi;
12:48b.LUK.012.048 ke yena obengazi, wenza ke okufanele imivumbo, uya kutyatyulwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo; nakulowo kubekwe okukhulu kuye, kuya kubizwa okungaphezulu.
12:49b.LUK.012.049 Ndize kuphosa umlilo ehlabathini; hayi, ukufuna kwam, ukunga unge useluphenjiwe!
12:50b.LUK.012.050 Kukho ke lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke.
12:51b.LUK.012.051 Niba ndize kungenisa uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, Hayi, kanye ndize kungenisa imbambano.
12:52b.LUK.012.052 Kuba kuya kuthi, kuthabathela kwalapha, kubekho abahlanu ndlwini-nye bebambene, abathathu bebambene nababini, nababini bebambene nabathathu.
12:53b.LUK.012.053 Kuya kubambana uyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana noninazala.
12:54b.LUK.012.054 Wayesithi ke nakuzo izihlwele, Xa nithe nalibona ilifu liphuma entshonalanga, nithi kwaoko, Kuza isiphango; kusuke kube njalo.
12:55b.LUK.012.055 Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; lusuke lubekho.
12:56b.LUK.012.056 Bahanahanisindini, niyakwazi ukuyicalula imbonakalo yomhlaba neyezulu; kungani na ke ukuba ningalicaluli lona eli xesha?
12:57b.LUK.012.057 Yini na ke ukuba nina ngokwenu ningakwahluli okububulungisa?
12:58b.LUK.012.058 Kuba xa uya nommangaleli wakho phambi komlawuli, yithi endleleni apho usebenze ukuthi uzikhulule kuye; hleze akurholele kumgwebi, aze umgwebi akunikele kumsila, umsila ukuphose entolongweni.
12:59b.LUK.012.059 Ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.
13
13:1b.LUK.013.001 Ke kaloku kwaye kukho abathile ngelo xesha, ababembikela amaGalili, agazi uPilato waliphithikeza namadini awo.
13:2b.LUK.013.002 Waphendula uYesu wathi kubo, Niba na loo maGalili ebengaboni ngaphezu kwawo onke amaGalili, ngokuba eve ubunzima obunjalo?
13:3b.LUK.013.003 Ndithi kuni, Hayi; nothi xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.
13:4b.LUK.013.004 Hi, bona abo balishumi elinesibhozo, bawelwa yinqaba eseSilowa, yababulala; niba na babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu abemiyo eYerusalem?
13:5b.LUK.013.005 Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.
13:6b.LUK.013.006 Wabethetha ke lo mzekeliso: Ubani wayenomkhiwane, utyelwe esidiliyeni sakhe; weza efuna isiqhamo kuwo, akafumana nto.
13:7b.LUK.013.007 Wathi ke kumsebenzi-sidiliya, Uyabona, ndiminyaka mithathu ndiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto; wugawule; yini na ukuba ude uphuthise nomhlaba.
13:8b.LUK.013.008 Aphendule ke yena athi kuye, Nkosi, wuyeke nangalo mnyaka, ndide khendimbe ndiwurhaqe, ndigalele umgquba.
13:9b.LUK.013.009 Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, wowuyeka; ke ukuba akubanga njalo, wobuya uwugawule.
13:10b.LUK.013.010 Ke kaloku wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu ngayo isabatha.
13:11b.LUK.013.011 Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya Wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa.
13:12b.LUK.013.012 Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho.
13:13b.LUK.013.013 Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo.
13:14b.LUK.013.014 Ke kaloku waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka kuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi kwizihlwele, Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo; yizani ngayo ngoko niphiliswe, kungabi ngawo umhla wesabatha.
13:15b.LUK.013.015 Yamphendula ngoko iNkosi, yathi, Mhanahanisindini, akathi na elowo kuni ayikhulule ngesabatha inkomo yakhe, nokuba liesile lakhe, emkhumbini wesitali, alirhole aye kuliseza?
13:16b.LUK.013.016 Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, ayibophileyo uSathana, khangela, le minyaka ilishumi elinesibhozo, ubengamele ukukhululwa na kulo mabophe ngomhla wesabatha?
13:17b.LUK.013.017 Akubon ukuba uyazithetha ezo ndawo, badaniswa bonke abachasene naye; zathi zonke izihlwele zavuya ngazo zonke izinto ezizukileyo ezenziwa nguye.
13:18b.LUK.013.018 Wayesithi ke, Bufana nantoni na ubukumkani bukaThixo? Ndiya kubufanisa nantoni na?
13:19b.LUK.013.019 Bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluphosa emyezweni wakhe; lwahluma lwaba ngumthi omkhulu, zathi iintaka zezulu zahlala emasebeni awo.
13:20b.LUK.013.020 Wabuya wathi, Ndiya kubufanisa nantoni na ubukumkani bukaThixo?
13:21b.LUK.013.021 Bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela.
13:22b.LUK.013.022 Waye ecanda kwimizi ngemizi, nemizana ngemizana, efundisa, esinga eYerusalem.
13:23b.LUK.013.023 Ke kaloku wathi othile kuye, Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?
13:24b.LUK.013.024 Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.
13:25b.LUK.013.025 Xa selethe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nokunkqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, nkosi, sivulele: uya kuza aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona.
13:26b.LUK.013.026 Niya kwandula niqale ukuthi, Sadla, sasela, emehlweni akho; nawe wafundisa ezitratweni zethu.
13:27b.LUK.013.027 Athi, Ndithi kuni, andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basebenzi bokungalungileyo.
13:28b.LUK.013.028 Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle.
13:29b.LUK.013.029 Babeya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasentla, nasezantsi, bangqengqe ebukumkanini bukaThixo.
13:30b.LUK.013.030 Yabonani, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.
13:31b.LUK.013.031 Kwangaloo mini kweza abaFarisi abathile, besithi kuye, Phuma umke apha; ngokuba uHerode ufuna ukukubulala.
13:32b.LUK.013.032 Wathi kubo, Yiyani nithi kuloo mpungutye, Uyabona, ndikhupha iidemon, ndifinyeze iimpiliso, namhla nangomso; ndithi ngowesithathu umhla ndifeze.
13:33b.LUK.013.033 Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhla nangomso nangolandelayo; ngokuba akangekhe umprofeti atshabalalele ngaphandle kweYerusalem.
13:34b.LUK.013.034 Yerusalem, Yerusalem, ebabulalayo abaprofeti, ibagibisele ngamatye abo bathunywe kuyo! Kufuthi kangakanani na ndathandayo ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amantshontsho aso ngaphantsi kwamaphiko aso, anavuma!
13:35b.LUK.013.035 Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. Inene, ndithi ke kuni. Aniyi kuba sandibona, kude kufike ixesha eniya kuthi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.
14
14:1b.LUK.014.001 Kwathi, akuba engene ngesabatha endlwini yomnye wakubaphathi babaFarisi, ukuba adle isonka, bahlala bemlalele bona.
14:2b.LUK.014.002 Kwabonakala kukho phambi kwakhe mntu uthile unegalimoya.
14:3b.LUK.014.003 Waphendula uYesu wathetha kubo abaqondisi-mthetho nabaFarisi, esithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? Bathi quthu ke bona.
14:4b.LUK.014.004 Wamthabatha, wamphilisa, wamndulula.
14:5b.LUK.014.005 Wabaphendula wathi, Lelikabani na kuni apha iesile, nokuba yinkomo, eya kweyela equleni, aze angayirholi kwaoko ngomhla wesabatha?
14:6b.LUK.014.006 Bakhohlwa ukumphendula kwezo zinto.
14:7b.LUK.014.007 Ke kaloku wathetha umzekeliso kwababemenyiwe, akugqala ukunyula kwabo izilili zobukhulu; wathi kubo,
14:8b.LUK.014.008 Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngubani, musa ukungqengqa esililini sobukhulu; hleze obekekileyo kunawe abe ubemenyiwe nguye,
14:9b.LUK.014.009 eze lowo ubenimemile, athi kuwe, Khwelela lo mntu; uze uqale ukuthabatha indawo esekugqibeleni udanile.
14:10b.LUK.014.010 Yithi xa uthe wamenywa, uye uhlale endaweni esekugqibeleni, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla., wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe.
14:11b.LUK.014.011 Ngokuba wonke umntu oziphakamisayo, uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.
14:12b.LUK.014.012 Wayesithi ke nakulowo ummemileyo, Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa, musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwana bakho, nemizalwane yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize oko kube yimbuyekezo kuwe.
14:13b.LUK.014.013 Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama;
14:14b.LUK.014.014 woba nentsikelelo; ngokuba abanako ukubuyekeza kuwe; kuba uya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.
14:15b.LUK.014.015 Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babehleli naye, wathi kuye, Unoyolo oya kudla isonka ebukumkanini bukaThixo.
14:16b.LUK.014.016 Uthe ke yena kuye, Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi.
14:17b.LUK.014.017 Wasusa umkhonzi wakhe ngelixa lesidlo, ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba konke sekulungisiwe.
14:18b.LUK.014.018 Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka; owokuqala wathi kuye, Ndithenge intsimi, kufuneka ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo.
14:19b.LUK.014.019 Wathi omnye, Ndithenge iinkomo zeedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo.
14:20b.LUK.014.020 Wathi omnye, Ndizeke umfazi, ngenxa yoko andinakuza.
14:21b.LUK.014.021 Efikile loo mkhonzi, wayibikela ke inkosi yakhe ezo ndawo. Wandula waqumba umninindlu, wathi kumkhonzi wakhe, Phuma kamsinya, uye ezitratweni nakwizitratwana zomzi, uqukele apha amahlwempu nezilima neziqhwala neemfama.
14:22b.LUK.014.022 Wathi umkhonzi, Nkosi, kwenzeke njengoko ubuyalele, ukanti kusekho indawo.
14:23b.LUK.014.023 Yathi inkosi kumkhonzi lowo, Phuma uye ezindleleni, nasezintangweni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.
14:24b.LUK.014.024 Kuba ndithi kuni, akukho nanye kuloo madoda abemenyiwe, eya kusiva isidlo sam.
14:25b.LUK.014.025 Ke kaloku kwaye kuhamba naye izihlwele ezikhulu; wajika, wathi kuzo,
14:26b.LUK.014.026 Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam.
14:27b.LUK.014.027 Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam.
14:28b.LUK.014.028 Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?
14:29b.LUK.014.029 Hleze, akubon ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonelayo baqale ukuhlekisa ngaye,
14:30b.LUK.014.030 besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba.
14:31b.LUK.014.031 Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka?
14:32b.LUK.014.032 Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo.
14:33b.LUK.014.033 Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam.
14:34b.LUK.014.034 Ilungile ityuwa; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa?
14:35b.LUK.014.035 Ayiwulungele nomhlaba, ayiwulungele nomgquba; ilahlelwa phandle. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
15
15:1b.LUK.015.001 Ke kaloku, babesondela kuye bonke ababuthi berhafu naboni, ukuba bamve.
15:2b.LUK.015.002 Babekrokra ke abaFarisi nababhali, besithi, Lo wamkela aboni, adle nabo.
15:3b.LUK.015.003 Wathetha ke kubo lo mzekeliso, esithi,
15:4b.LUK.015.004 Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane?
15:5b.LUK.015.005 Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya.
15:6b.LUK.015.006 Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile.
15:7b.LUK.015.007 Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.
15:8b.LUK.015.008 Kanjalo nguwuphi na umfazi eneedrarhima zilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane?
15:9b.LUK.015.009 Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene idrarhima ebindilahlekile.
15:10b.LUK.015.010 Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.
15:11b.LUK.015.011 Ke kaloku wathi, Umntu othile ube enoonyana ababini.
15:12b.LUK.015.012 Wathi omnci wabo kuyise, Bawo, ndinike isahlulo sempahla esilunge nam. Wababela imfuyo leyo.
15:13b.LUK.015.013 Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa.
15:14b.LUK.015.014 Akubon ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye.
15:15b.LUK.015.015 Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalusa iihagu.
15:16b.LUK.015.016 Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo.
15:17b.LUK.015.017 Ke kaloku, akuba nokuziqonda, wathi, Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo, abadikwa zizonka; nanku ke mna ndiphela yindlala?
15:18b.LUK.015.018 Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho.
15:19b.LUK.015.019 Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndenze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho.
15:20b.LUK.015.020 Wesuka weza kuyise. Ke kaloku, akubon ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga.
15:21b.LUK.015.021 Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngonyana wakho.
15:22b.LUK.015.022 Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise, nifake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe.
15:23b.LUK.015.023 Nizise ithole, eliya lityetyisiweyo, nixhele; sidle, sibe nemihlali.
15:24b.LUK.015.024 Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali.
15:25b.LUK.015.025 Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini; wathi xa azayo, wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa.
15:26b.LUK.015.026 Wabizela kuye omnye kubakhonzi, wambuza ukuba zingaba ziyini na ezi zinto.
15:27b.LUK.015.027 Uthe ke yena kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo ke uxhele ithole, eliya lityetyisiweyo; ngokuba ebuye wamzuzu ephilile.
15:28b.LUK.015.028 Waqumba ke, akavuma nokungena. Uphumile ke uyise wambongoza.
15:29b.LUK.015.029 Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andizanga ndigqithe mthetho wakho; ukanti akuzanga undinike netakane eli, ukuze ndenze imihlali nezam izihlobo;
15:30b.LUK.015.030 kodwa xenikweni afikileyo lo nyana wakho, wayidlayo wayigqiba impilo yakho namahenyukazi, umxhelele ithole eliya lityetyisiweyo.
15:31b.LUK.015.031 Uthe ke yena kuye, Mntwana wam, wena uhleli unam, nazo zonke izinto zam zezakho.
15:32b.LUK.015.032 Besimelwe kukuthi senze imihlali ke, sivuye; ngokuba umninawa wakho lo ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.
16
16:1b.LUK.016.001 Ke kaloku, wayesithi nakubafundi bakhe, Kwaye kukho umntu othile osisityebi, obenegosa; laza lona lancethezwa kuye, ukuba lingoyichithayo impahla yakhe.
16:2b.LUK.016.002 Elibizile ke, wathi kulo, Yintoni na le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho; kuba akusayi kuba saba ligosa.
16:3b.LUK.016.003 Lathi ke igosa ngaphakathi kwalo, Ndiya kuthini na? Ngokuba inkosi yam iyabuhlutha ubugosa kum; ukumba kundikhohlile; ukungqiba, ndineentloni.
16:4b.LUK.016.004 O! ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndakhutshwa ebugoseni, bandamkele ezindlwini zabo.
16:5b.LUK.016.005 Libabizele kulo ngabanye abanetyala enkosini yalo, lathi kowokuqala, Unatyala lingakanani na enkosini yam?
16:6b.LUK.016.006 Uthe ke yena, Likhulu leebhate zeoli. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, uhlale phantsi msinya, ubhale amashumi amahlanu.
16:7b.LUK.016.007 Emva koko lathi komnye, Wena ke unatyala lingakanani na? Uthe ke yena, Likhulu leekore zengqolowa. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, ubhale amashumi asibhozo.
16:8b.LUK.016.008 Yaza inkosi leyo yalincoma igosa elingalungisiyo, ngokuba lenza ngokuqonda; ngokuba bona abeli phakade kwesabo isizukulwana banokuqonda, ngaphezu kwabo abokukhanya.
16:9b.LUK.016.009 Nam ndithi kuni, Zenzeleni izihlobo ngabo ubutyebi bokungalungisi, ukuze xa nithe naphelelwa, namkelwe eminqubeni engunaphakade.
16:10b.LUK.016.010 Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongalungisiyo kokuncinane, akalungisi nakokukhulu.
16:11b.LUK.016.011 Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka ebutyebini bokungalungisi, ngubani na owonithemba kobo buyinyaniso?
16:12b.LUK.016.012 Nokuba anibanga nakuthembeka koko komnye, ngubani na oya kuninika okukokwenu?
16:13b.LUK.016.013 Akukho mkhonzi unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.
16:14b.LUK.016.014 Ke kaloku baye beziva ezo ndawo zonke nabo abaFarisi, amathanda-mali; baye bemsinekela ke.
16:15b.LUK.016.015 Wathi kubo, Nina ningabazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; ngokuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo.
16:16b.LUK.016.016 Yayingumthetho nabaprofeti kwada kwakuYohane; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela.
16:17b.LUK.016.017 Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho.
16:18b.LUK.016.018 Wonke umntu omalayo umfazi wakhe, azeke wumbi, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka owalene nendoda, uyakrexeza.
16:19b.LUK.016.019 Ke bekukho umntu othile osisityebi, obevatha ezibomvu nezelinen ecikizekileyo, esenza imihlali yokuzuka kwakhe imihla yonke.
16:20b.LUK.016.020 Bekukho ke hlwempu lithile, ligama linguLazaro, elalikhahlelwe esangweni lakhe, lizele zizilonda,
16:21b.LUK.016.021 linqwenela ukuhluthiswa ngeemvuthuluka eziwa etafileni yesityebi eso; zibe zisithi izinja, zize zikhothe izilonda zalo.
16:22b.LUK.016.022 Ke kaloku lathi lafa ihlwempu elo, lasiwa zizithunywa zezulu esifubeni sika-Abraham; safa ke nesityebi, sangcwatywa.
16:23b.LUK.016.023 Size, sikwelabafileyo, siphakamise amehlo aso sisentuthumbeni, simbone uAbraham ekude, ulazaro esesifubeni sakhe.
16:24b.LUK.016.024 Samemeza sona sathi, Bawo, Abraham, ndenzele inceba, uthume uLazaro, ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam; ngokuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye.
16:25b.LUK.016.025 Uthe ke uAbraham, Mntwana wam, khumbula ukuba wena wazifincelela ebomini bakho izinto zakho ezilungileyo, noLazaro ngokukwanjalo izinto ezimbi; ngoku ke yena uyathuthuzelwa, wena ke uyathuthunjelwa.
16:26b.LUK.016.026 Kananjalo ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; bathi nabalapho, bangabi nakuwelela kuthi.
16:27b.LUK.016.027 Sathi, Ndiyakucela ngoko, bawo, ukuba umthume endlwini kabawo; kuba ndinabazalwana abahlanu;
16:28b.LUK.016.028 ukuba abaqononondise, ukuze bangathi nabo beze kule ndawo yentuthumbo.
16:29b.LUK.016.029 Athi uAbraham kuso, BanoMoses nabaprofeti, mabeve bona.
16:30b.LUK.016.030 Sithe ke sona, Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka.
16:31b.LUK.016.031 Uthe ke kuso, Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.
17
17:1b.LUK.017.001 Wathi ke kubo abafundi, Azinakuba zingezi izikhubekiso; yeha ke, loo mntu ziza ngaye!
17:2b.LUK.017.002 Angasizakala kanye, ethe wagangxwa ilitye lokusila entanyeni yakhe, wajulelwa elwandle, kunokuba akhubekise noko amnye kwaba bancinane.
17:3b.LUK.017.003 Zilumkeleni; ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, mkhalimele; ukuba uthe waguquka, mxolele.
17:4b.LUK.017.004 Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi, Ndiyaguquka, wothi umxolele.
17:5b.LUK.017.005 Abapostile bathi eNkosini, Songezelele ukholo.
17:6b.LUK.017.006 Ithe ke iNkosi, Ukuba beninokholo olunjengokhozo lwemostade, beningathi kulo mthombe, Ncothuka, utyaleke phakathi elwandle; uze unive.
17:7b.LUK.017.007 Ngubani na ke kuni, enomkhonzi elima, mhlawumbi esalusa, oya kuthi, akungena evela entsimini, athi kwaoko kuye, Yiza uhlale phantsi;
17:8b.LUK.017.008 ongayi kuthi kanye kuye, Lungisa into endiya kuyidla, uze ubhinqe, undilungiselele, ndide ndidle ndisele; wothi emva koko udle usele nawe?
17:9b.LUK.017.009 Anganombulelo kuloo mkhonzi yini na, ngokuba enze izinto azimiselweyo? Anditsho mna.
17:10b.LUK.017.010 Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enazimiselwayo, Yithini, Singabakhonzi abangancedi lutho; ngokuba sanele ukwenza oko besimelwe kukuthi sikwenze.
17:11b.LUK.017.011 Kwathi ekuhambeni kwakhe ukuya eYerusalem, wacanda phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili yena.
17:12b.LUK.017.012 Akubon ukuba ungena mzini uthile, amhlangabeza amadoda alishumi eneqhenqa, amela mgama.
17:13b.LUK.017.013 Wona aphakamisa ilizwi, esithi, Yesu, Mongameli, senzele inceba.
17:14b.LUK.017.014 Ewabonile ke, wathi kuwo, Hambani niye kuzibonakalalisa kubabingeleli. Kwathi ekuyeni kwawo, ahlanjululwa.
17:15b.LUK.017.015 Ithe ke enye kuwo apho, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imzukisa uThixo ngezwi elikhulu.
17:16b.LUK.017.016 Yawa ngobuso ezinyaweni zakhe, ibulela kuye; yaye yona ingumSamariya.
17:17b.LUK.017.017 Waphendula ke uYesu wathi, Babengahlanjululwanga belishumi na? Baphi na ke abasithoba?
17:18b.LUK.017.018 Akufumanekanga na babuyileyo, besiza kuzukisa uThixo, ngulo wolunye uhlanga yedwa na?
17:19b.LUK.017.019 Wathi kuye, Vuka, uhambe; ukholo lwakho lukusindisile.
17:20b.LUK.017.020 Ke kaloku, akubuzwa ngabaFarisi ukuba ubukumkani bukaThixo buya kufika nini na, wabaphendula wathi, Ubukumkani bukaThixo abufiki bunokulolongeka.
17:21b.LUK.017.021 Kanjalo akuyi kuthiwa, Nabu apha! Nabuya phaya! Kuba, yabonani, ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu.
17:22b.LUK.017.022 Wathi ke kubo abafundi, Kuya kufika mihla, niya kunqwenela ngayo ukuwubona noko umnye umhla woNyana woMntu, ningawuboni;
17:23b.LUK.017.023 baya kuthi ke kuni, Nanku apha! Nankuya phaya! Musani ukuya, ningaphuthumi nokuphuthuma.
17:24b.LUK.017.024 Kuba kwanjengokuba umbane ubaneka, uphuma kwelinye icala eliphantsi kwezulu, ukhanye usingise kwelinye eliphantsi kwezulu, uya kuba njalo noNyana woMntu ngomhla wakhe.
17:25b.LUK.017.025 Kodwa kuqala umelwe kukuthi eve ubunzima obuninzi, alahlwe sesi sizukulwana.
17:26b.LUK.017.026 Njengoko kwaye kuhle ngemihla kaNowa, koba njalo nangemihla yoNyana woMntu.
17:27b.LUK.017.027 Babesidla, babesela, babezeka, babesendisa, kwada kwayimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke.
17:28b.LUK.017.028 Njengoko kwaye kunjalo nangemihla kaLote; babesidla, babesela, babethenga, babethengisa, babetyala, babesakha;
17:29b.LUK.017.029 kodwa ngemini awaphuma ngayo uLote eSodom, kwana umlilo nesulfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke.
17:30b.LUK.017.030 Kuya kuba kwanjengoko ngemini atyhileka ngayo uNyana woMntu.
17:31b.LUK.017.031 Ngaloo mini, oya kuba phezu kwendlu, zibe iimpahla zakhe zisendlwini, makangehli aye kuzithabatha. Kwangokunjalo, nosentsimini makangabuyeli kwezisemva.
17:32b.LUK.017.032 Khumbulani umkaLote.
17:33b.LUK.017.033 Othe wafuna ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; othe wawulahla, uya kuwulondoloza.
17:34b.LUK.017.034 Ndithi kuni, Ngobo busuku ababini boba sililini sinye; omnye amkelwe, omnye ashiywe.
17:35b.LUK.017.035 Amankazana amabini oba esila ndawonye; enye yamkelwe, enye ishiywe.
17:36b.LUK.017.036 Abantu ababini boba sentsimini; omnye amkelwe, omnye ashiywe.
17:37b.LUK.017.037 Baphendula bathi kuye, Phi na, Nkosi? Ithe ke yona kubo, Apho sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.
18
18:1b.LUK.018.001 Ke kaloku, wayethetha nomzekeliso kubo, wokuba bamelwe kukuhlala bethandaza, bangethi amandla;
18:2b.LUK.018.002 esithi, Kwaye kukho umgwebi emzini othile, ongamoyikiyo uThixo, ongamhloneleyo nomntu.
18:3b.LUK.018.003 Bekukho ke umhlolokazi othile kuloo mzi, obemana ukuza kuye, esithi, Ndikhulule kummangaleli wam.
18:4b.LUK.018.004 Kwaba mzuzu engavumi; kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe, Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu:
18:5b.LUK.018.005 noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala, ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule.
18:6b.LUK.018.006 Ithe ke iNkosi, Kuveni okuthethwa ngumgwebi ongalungisiyo.
18:7b.LUK.018.007 Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo?
18:8b.LUK.018.008 Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya. Kodwa ke akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha?
18:9b.LUK.018.009 Ke kaloku wathetha lo mzekeliso nakwabathile, ababekholose ngokuthi ngaphakathi kwabo bangamalungisa, bengabenze nto abanye:
18:10b.LUK.018.010 Amadoda amabini enyuka aya etempileni, esiya kuthandaza; enye ingumFarisi, enye ingumbuthi werhafu.
18:11b.LUK.018.011 UmFarisi, ezimise yedwa, wayethandaza esithi, Thixo, ndiyabulela kuwe, ukuba ndingenjengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi; ndingenjengaye nalo mbuthi werhafu.
18:12b.LUK.018.012 Ndizila ukudla kabini ngeveki, ndinikela izishumi zako konke endikuzuzayo.
18:13b.LUK.018.013 Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ezulwini; wamana ukubetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.
18:14b.LUK.018.014 Ndithi kuni, Wehla lo waya endlwini yakhe, egwetyelwe yena kunalowa; ngokuba wonke umntu oziphakamisayo uva kuthotywa; nozithobayo ke uya kuphakanyiswa.
18:15b.LUK.018.015 Ke kaloku baye bezisa kuye neentsana zabo, ukuze azichukumise; bebonile ke abafundi, babakhalimela.
18:16b.LUK.018.016 Ke yena uYesu wazibizela kuye, wathi, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli; kuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.
18:17b.LUK.018.017 Inene, ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akasayi kukha angene kubo.
18:18b.LUK.018.018 Umphathi othile wambuza, esithi, Mfundisi ulungileyo, mandenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?
18:19b.LUK.018.019 Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo.
18:20b.LUK.018.020 Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, beka uyihlo nonyoko.
18:21b.LUK.018.021 Uthe ke yena, Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam.
18:22b.LUK.018.022 Ekuvile ke oko uYesu, wathi kuye, Kusekho nto-nye uyisweleyo; zonke izinto onazo thengisa ngazo, wabele amahlwempu; woba nobutyebi ke emazulwini; uze undilandele.
18:23b.LUK.018.023 Ezivile ke ezo ndawo, waba buhlungu kakhulu; kuba ube esisityebi kunene.
18:24b.LUK.018.024 UYesu akumbona ke ebuhlungu kakhulu, wathi, Hayi, ukuba ngenkankulu, ukuthi abo banobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo.
18:25b.LUK.018.025 Kuba kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.
18:26b.LUK.018.026 Bathi ke abo bevayo, Ngubani na ke ongasindiswayo?
18:27b.LUK.018.027 Uthe ke yena, Izinto ezingenakwenzeka kubantu, zinokwenzeka kuye uThixo.
18:28b.LUK.018.028 Uthe ke uPetros, Uyabona, thina sishiye izinto zonke, sakulandela.
18:29b.LUK.018.029 Uthe ke yena kubo, Inene, ndithi kuni, Akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazali, nokuba ngabazalwana, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, ngenxa yobukumkani bukaThixo,
18:30b.LUK.018.030 ongasayi kwamkela izinto eziphindaphindiweyo ngalo eli xesha, aze ngelo lizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.
18:31b.LUK.018.031 Ke kaloku ubathabathile abalishumi elinababini, wathi kubo, Niyabona, siyenyuka, siya eYerusalem; zaye ziya kuphelela zonke izinto ezibhaliweyo ngabaprofeti, kuye uNyana woMntu.
18:32b.LUK.018.032 Kuba uya kunikelwa kuzo iintlanga, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe;
18:33b.LUK.018.033 zimtyakatye, zimbulale; athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
18:34b.LUK.018.034 Bona abaqondanga nento kwezi zinto; laye neli lizwi lifihlakele kubo, babengazazi izinto ezithethwayo.
18:35b.LUK.018.035 Kwaye ke kaloku, ekusondeleni kwakhe eYeriko, kuhleli imfama ethile ngasendleleni, ingqiba.
18:36b.LUK.018.036 Ithe yakuva kudlula isihlwele, yamana ibuza ukuba ingaba yintoni na le.
18:37b.LUK.018.037 Bayixelela ke ukuba kudlula uYesu waseNazarete.
18:38b.LUK.018.038 Yabhomboloza isithi, Yesu, nyana kaDavide, ndenzele inceba.
18:39b.LUK.018.039 Baye abo babehamba ngaphambili beyikhalimela, ukuba ithi tu; kwaba kukhona ke yona ikhalayo ngakumbi, isithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba.
18:40b.LUK.018.040 Wema ke uYesu, wathi mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza,
18:41b.LUK.018.041 esithi, Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na? Ithe ke yona, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone.
18:42b.LUK.018.042 UYesu wathi kuyo, Buya ubone; ukholo lwakho lukusindisile.
18:43b.LUK.018.043 Kwangoko yabuya yabona, yamlandela imzukisa uThixo; bathi bonke abantu, bakukubona oko, badumisa uThixo.
19
19:1b.LUK.019.001 Waye engene uYesu, ecanda eYeriko.
19:2b.LUK.019.002 Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona.
19:3b.LUK.019.003 Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba ngesithomo yayimfutshane.
19:4b.LUK.019.004 Yagidima ngaphambili, yakhwela kumthombe ukuze imbone; ngokuba ebeza kudlula ngapho.
19:5b.LUK.019.005 Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho.
19:6b.LUK.019.006 Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya.
19:7b.LUK.019.007 Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Ungene waya kulala kwindoda engumoni.
19:8b.LUK.019.008 Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi, Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; nokuba ndidle into kabani ngokumtyhola, ndimbuyisela kane.
19:9b.LUK.019.009 Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufike usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham;
19:10b.LUK.019.010 kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.
19:11b.LUK.019.011 Ke kaloku, bakubon ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko.
19:12b.LUK.019.012 Wathi ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye.
19:13b.LUK.019.013 Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike.
19:14b.LUK.019.014 Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathuma izigidimi emva kwakhe, besithi, Asithandi ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu.
19:15b.LUK.019.015 Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.
19:16b.LUK.019.016 Wavela ke owokuqala esithi, Nkosi, imina yakho izele iimina zalishumi.
19:17b.LUK.019.017 Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba waba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi.
19:18b.LUK.019.018 Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu.
19:19b.LUK.019.019 Uthe ke nakulowo, Nawe yiba phezu kwemizi emihlanu
19:20b.LUK.019.020 Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni;
19:21b.LUK.019.021 kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga.
19:22b.LUK.019.022 Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga;
19:23b.LUK.019.023 ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala?
19:24b.LUK.019.024 Wathi kwababemi ngakhona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi.
19:25b.LUK.019.025 Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi.
19:26b.LUK.019.026 Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako ke, uya kuhluthwa kwanoko anako.
19:27b.LUK.019.027 Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam.
19:28b.LUK.019.028 Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem.
19:29b.LUK.019.029 Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, esingise entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe,
19:30b.LUK.019.030 wathi, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi, nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.
19:31b.LUK.019.031 Nokuba ubani uyanibuza, esithi, Yini na ukuba nilikhulule? nothi ukuthetha kuye, Liyafuneka eNkosini.
19:32b.LUK.019.032 Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafumana kunjengoko abekutshilo kubo.
19:33b.LUK.019.033 Ke kaloku, bakubon ukuba bayalikhulula ithole, bathi abaninilo kubo, Nilikhululelani na ithole?
19:34b.LUK.019.034 Bathi ke bona, Liyafuneka eNkosini.
19:35b.LUK.019.035 Balizisa kuYesu, baphosa iingubo zabo phezu kwethole elo, bamkhwelisa uYesu.
19:36b.LUK.019.036 Akubon ukuba uyahamba ke, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni.
19:37b.LUK.019.037 Ke kaloku, akubon ukuba selesondele ekuhleni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonayo;
19:38b.LUK.019.038 besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; uxolo emazulwini, uzuko enyangweni.
19:39b.LUK.019.039 Abathile kubaFarisi esihlweleni apho bathi kuye, Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho.
19:40b.LUK.019.040 Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kungathi kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la.
19:41b.LUK.019.041 Akusondela, wawubona umzi, wawulilela,
19:42b.LUK.019.042 esithi, Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! Ke kungoku zifihliwe emehlweni akho.
19:43b.LUK.019.043 Ngokuba uya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngodonga, zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke,
19:44b.LUK.019.044 zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi, kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho, ngenxa enokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho.
19:45b.LUK.019.045 Waza, eye kungena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga;
19:46b.LUK.019.046 esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.
19:47b.LUK.019.047 Wayefundisa imihla ngemihla etempileni apho. Baye ke ababingeleli abakhulu nababhali, kwanabaziintloko zabantu, befuna ukumtshabalalisa.
19:48b.LUK.019.048 Baye ke bengafumani nto bangayenzayo; kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula.
20
20:1b.LUK.020.001 Kwathi ngenye imini, akubon ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, kunye namadoda amakhulu.
20:2b.LUK.020.002 Bathetha kuye besithi, Sixelele; uzenza ngagunya lini na ezi zinto? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya?
20:3b.LUK.020.003 Waphendula ke wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye, ize nindixelele ke.
20:4b.LUK.020.004 Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na?
20:5b.LUK.020.005 Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
20:6b.LUK.020.006 Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, bonke abantu bosigibisela ngamatye; kuba beyisekile ukuba uYohane ungumprofeti.
20:7b.LUK.020.007 Baphendula ngokuthi, abazi ukuba lwaphuma phi na.
20:8b.LUK.020.008 Wathi ke uYesu kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
20:9b.LUK.020.009 Ke kaloku waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso: Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo.
20:10b.LUK.020.010 Wathi ngalo ixesha elifanelekileyo, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya. Basuka ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha.
20:11b.LUK.020.011 Waphinda wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha.
20:12b.LUK.020.012 Waphinda wathuma nowesithathu. Bathi ke bona bamngxwelerha nalowo, bamkhupha.
20:13b.LUK.020.013 Uthe ke umninisidiliya, Ndiya kuthini na? Ndiya kuthuma unyana wam oyintanda; mhlawumbi, bakumbona, bangamhlonela yena.
20:14b.LUK.020.014 Bathe ke abalimi, bakumbona, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu.
20:15b.LUK.020.015 Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Uya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya?
20:16b.LUK.020.016 Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele bambi isidiliya eso. Bathe ke bakukuva oko, Mayingabikho loo nto!
20:17b.LUK.020.017 Wondela ke kubo, wathi, Yintoni na phofu le ibhaliweyo: Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo?
20:18b.LUK.020.018 Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke bona elithe labawela, lobabetha bathi saa.
20:19b.LUK.020.019 Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; boyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingisele kubo lo mzekeliso.
20:20b.LUK.020.020 Bamlalela, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuba zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele elulawulweni nasegunyeni lerhuluneli.
20:21b.LUK.020.021 Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu; usuka ufundise indlela kaThixo ngenene.
20:22b.LUK.020.022 Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na?
20:23b.LUK.020.023 Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na?
20:24b.LUK.020.024 Ndiboniseni idenariyo. Inomfanekiso nombhalo kabani na? Ziphendule ke zathi, KaKesare.
20:25b.LUK.020.025 Uthe ke yena kuzo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo.
20:26b.LUK.020.026 Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zamangaliswa yimpendulo yakhe, zathi cwaka.
20:27b.LUK.020.027 Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko; bambuza,
20:28b.LUK.020.028 besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu ozalana naye.
20:29b.LUK.020.029 Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana.
20:30b.LUK.020.030 Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana.
20:31b.LUK.020.031 Nowesithathu wamzeka; benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana.
20:32b.LUK.020.032 Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi lowo.
20:33b.LUK.020.033 Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? Kuba bosixhenxe bebenaye engumfazi.
20:34b.LUK.020.034 Waphendula ke wathi kubo uYesu, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa;
20:35b.LUK.020.035 ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa;
20:36b.LUK.020.036 kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.
20:37b.LUK.020.037 Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, INkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi.
20:38b.LUK.020.038 AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye.
20:39b.LUK.020.039 Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho.
20:40b.LUK.020.040 Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.
20:41b.LUK.020.041 Wathi ke kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu ungunyana kaDavide?
20:42b.LUK.020.042 Kanti noDavide yena ngokwakhe uthi encwadini yeeNdumiso, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam,
20:43b.LUK.020.043 Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.
20:44b.LUK.020.044 UDavide ngoko umbiza ngokuthi, Nkosi; aze abe ke ngunyana wakhe ngani na?
20:45b.LUK.020.045 Ke kaloku, bakubon ukuba bayeva bonke abantu, wathi kubafundi bakhe,
20:46b.LUK.020.046 Balumkeleni ababhali, abathandayo ukuhamba ngeengubo ezinde, bathande imibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni;
20:47b.LUK.020.047 abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu. Abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.
21
21:1b.LUK.021.001 Ke kaloku akubheka, wazibona izityebi, ziphosa iminikelo yazo emkhumbini wokulondoloza imali.
21:2b.LUK.021.002 Wabona ke mhlolokazi uthile ulihlwempu, ephosa apho iimalanana ezimbini.
21:3b.LUK.021.003 Wathi, Inyaniso ndithi kuni, Lo mhlolokazi usweleyo uphose ngaphezu kwabo bonke;
21:4b.LUK.021.004 kuba bonke aba baphose eminikelweni kaThixo, bethabatha kwintabalala yabo; ukanti lo, ekusweleni kwakhe, uphose yonke impilo abenayo.
21:5b.LUK.021.005 Ke kaloku, kwakubon ukuba abathile bayathetha ngayo itempile, ukuba ihonjiswe ngamatye amahle nangeminikelo, wathi,
21:6b.LUK.021.006 Ezi zinto nizibona nje, kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
21:7b.LUK.021.007 Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? Uya kuba yintoni na nomqondiso, xa ngaba ezi zinto ziza kubakho?
21:8b.LUK.021.008 Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; ewe, ixesha lisondele; ngoko musani ukubalandela.
21:9b.LUK.021.009 Xa nithe neva iimfazwe neziphithiphithi, musani ukunkwantya; kuba ezo zinto zimele ukuthi zihle kuqala; sona ke isiphelo asiyi kuba kwaoko.
21:10b.LUK.021.010 Wandula wathi kubo, Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani.
21:11b.LUK.021.011 Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo, neendlala, neendyikitya zokufa; kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini.
21:12b.LUK.021.012 Ngaphambili ke kwazo zonke ezo zinto, baya kunisa izandla, banitshutshise, beninikela ezindlwini zesikhungu nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam.
21:13b.LUK.021.013 Oko ke kuya kuthi kube bubungqina kuni.
21:14b.LUK.021.014 Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningakucingi ngaphambili ukuziphendulela.
21:15b.LUK.021.015 Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo.
21:16b.LUK.021.016 Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo, kubekho nabababulalayo kuni;
21:17b.LUK.021.017 nithiywe ngabantu bonke ngenxa yegama lam.
21:18b.LUK.021.018 Akusayi kutshabalala nonwele olu entlokweni yenu.
21:19b.LUK.021.019 Ekunyamezeleni kwenu, noyizuza imiphefumlo yenu.
21:20b.LUK.021.020 Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo.
21:21b.LUK.021.021 Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kwayo mabaphume bemke, nabo basemaphandleni mabangangeni kuyo.
21:22b.LUK.021.022 Ngokuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo.
21:23b.LUK.021.023 Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla; kuba kuya kubakho ingxakeko enkulu phezu kwawo umhlaba, nengqumbo kwaba bantu;
21:24b.LUK.021.024 bawe ngohlangothi lwekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga, neYerusalem inyathelelwe phantsi ziintlanga, ade azaliseke amaxesha eentlanga.
21:25b.LUK.021.025 Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza; lugquma ulwandle namaza;
21:26b.LUK.021.026 abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo; kuba amandla ezulu aya kuzanyazanyiswa.
21:27b.LUK.021.027 Baya kwandula ke ukumbona uNyana woMntu, esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu.
21:28b.LUK.021.028 Ke kaloku, zakubon ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu.
21:29b.LUK.021.029 Wathetha umzekeliso kubo, wathi, Wukhangeleni umkhiwane nemithi yonke;
21:30b.LUK.021.030 xa iselithe yavelisa amagqabi, niyabona nazi ngokwenu ukuba ihlobo selikufuphi.
21:31b.LUK.021.031 Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo.
21:32b.LUK.021.032 Inene ndithi kuni, Asiyi kukha sidlule esi sizukulwana, zide zihle zonke ezi zinto.
21:33b.LUK.021.033 Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kudlula.
21:34b.LUK.021.034 Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo.
21:35b.LUK.021.035 Kuba iya kubazela njengomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke.
21:36b.LUK.021.036 Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu.
21:37b.LUK.021.037 Ke kaloku, emini ebefundisa etempileni; athi ngobusuku aphume, ayekulala entabeni ekuthiwa yeyemiNquma.
21:38b.LUK.021.038 Bonke ke abantu babesiza kuye kwakusasa etempileni, ukuba beve ukuthetha kwakhe.
22
22:1b.LUK.022.001 Ke kaloku, wawusondela umthendeleko wezonka ezingenagwele, ekuthiwa yipasika.
22:2b.LUK.022.002 Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbulala, kuba bebesoyika abantu.
22:3b.LUK.022.003 Wangena ke uSathana kuYuda, ogama limbi linguSikariyoti, ongowenani labalishumi elinababini.
22:4b.LUK.022.004 Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angathini na ukumnikela kubo.
22:5b.LUK.022.005 Bavuya, banqophisana naye ukumnika imali,
22:6b.LUK.022.006 wabavumela, wamana efuna ithuba elimlungeleyo lokumnikela kubo, kungekho siphendu.
22:7b.LUK.022.007 Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, ekwakumele ukuthi ngawo kubingwe imvana yepasika.
22:8b.LUK.022.008 Wesusa uPetros noYohane, wathi, Hambani niye kusilungisela ipasika, ukuze sidle.
22:9b.LUK.022.009 Bathe ke bona kuye, Ufuna ukuba siyilungise phi na?
22:10b.LUK.022.010 Uthe ke yena kubo, Yabonani, nakungena kuwo umzi lo, nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni, niye endlwini angena kuyo.
22:11b.LUK.022.011 Nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam?
22:12b.LUK.022.012 Kwayena wonibonisa igumbi eliphezulu elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke.
22:13b.LUK.022.013 Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika.
22:14b.LUK.022.014 Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile abalishumi elinababini kunye naye.
22:15b.LUK.022.015 Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima.
22:16b.LUK.022.016 Kuba ndithi kuni, Andiyi kubuya ndibe sadla kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo.
22:17b.LUK.022.017 Wamkela indebe, wabulela, wathi, Yithabatheni, nabelane ngayo.
22:18b.LUK.022.018 Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani bukaThixo.
22:19b.LUK.022.019 Wathabatha isonka, wathi akubulela waqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula.
22:20b.LUK.022.020 Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.
22:21b.LUK.022.021 Kodwa niyabona, isandla sondingcatshayo sinam etafileni apha.
22:22b.LUK.022.022 UNyana woMntu okunene uyemka, njengoko kumisiweyo; kodwa ke, yeha, loo mntu angcatshwa nguye!
22:23b.LUK.022.023 Baqala bona ukubuzana phakathi kwabo, ukuba ingaba ke nguwuphi na kubo, oza kuyenza le nto.
22:24b.LUK.022.024 Ke kaloku kwabakho nokubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungathiwa ngomkhulu.
22:25b.LUK.022.025 Uthe ke yena kubo, Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanabo benza ngegunya kuzo, kuthiwa ngabancedi.
22:26b.LUK.022.026 Ke nina ze ningabi njalo: omkhulu kuni, makabe njengomnci; nongumphathi makabe njengomlungiseleli.
22:27b.LUK.022.027 Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli.
22:28b.LUK.022.028 Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam.
22:29b.LUK.022.029 Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna,
22:30b.LUK.022.030 ukuze nidle, nisele, esithebeni sam ebukumkanini bam, nihlale ezitroneni, nigweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.
22:31b.LUK.022.031 Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa.
22:32b.LUK.022.032 Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.
22:33b.LUK.022.033 Wathi ke yena kuyo, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni.
22:34b.LUK.022.034 Ithe ke yona, Ndithi kuwe, Petros, ayisayi kulila namhlanje inkuku, ungekakhanyeli kathathu ukuba uyandazi.
22:35b.LUK.022.035 Yathi kubo, Okuya ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na? Bathi ke bona, Nento le.
22:36b.LUK.022.036 Ithe ke kubo, Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele.
22:37b.LUK.022.037 Kuba ndithi kuni, Oku kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; kuba kananjalo izinto ezingam zinemfezeko.
22:38b.LUK.022.038 Bathi ke bona, Nkosi, uyabona, nanga amakrele emabini. Ithe ke yona kubo, Kwanele.
22:39b.LUK.022.039 Uphumile ke, waya ngokwesiko lakhe eNtabeni yemiNquma, bamlandela ke nabafundi bakhe.
22:40b.LUK.022.040 Efikile ke kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ningangeni ekulingweni.
22:41b.LUK.022.041 Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo wathandaza,
22:42b.LUK.022.042 esithi, Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe, kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.
22:43b.LUK.022.043 Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza.
22:44b.LUK.022.044 Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile. Kwathi ke ukubila kwakhe kwanga kungamathontsi amakhulu egazi, esiwa emhlabeni.
22:45b.LUK.022.045 Wavuka ekuthandazeni, weza kubafundi bakhe, wabafumana belele ngokuba buhlungu kwentliziyo.
22:46b.LUK.022.046 Wathi kubo, Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.
22:47b.LUK.022.047 Ke kaloku, akubon ukuba usathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga.
22:48b.LUK.022.048 Uthe ke uYesu kuye, Yuda, umngcatsha uNyana woMntu ngokumanga na?
22:49b.LUK.022.049 Ke kaloku abo babemphahlile, bakukubona okuza kuhla, bathi kuye, Nkosi, sixabele na ngekrele?
22:50b.LUK.022.050 Omnye kubo abo wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene.
22:51b.LUK.022.051 Waphendula ke uYesu wathi, Yekani, kwanele. Wayichukumisa indlebe yakhe, wamphilisa.
22:52b.LUK.022.052 Uthe ke uYesu kwabo babemfikele, ababingeleli abakhulu, nabaphathi betempile, namadoda amakhulu, Niphume ninamakrele neentonga na, nanga nize esihangeni?
22:53b.LUK.022.053 Bendinani imihla ngemihla etempileni, anolula zandla ngakum; kambe eli lilixa lenu, negunya lobumnyama.
22:54b.LUK.022.054 Bambambile ke, bamrhola, bamsa endlwini yombingeleli omkhulu; waye ke uPetros elandela ekude.
22:55b.LUK.022.055 Ke kaloku, bakubon ukuba babase umlilo phakathi kwentendelezo, behleli phantsi ndawonye, uthe wahlala uPetros phakathi kwabo.
22:56b.LUK.022.056 Ke umkhonzazana othile umbonile ehleli ebandezini, wamjonga wathi, Nalo ube enaye.
22:57b.LUK.022.057 Wamkhanyela ke yena, esithi, Nkazanandini, andimazi.
22:58b.LUK.022.058 Kwakuba mzuzwana, omnye wambona wathi, Nawe ungowabo. Wathi ke uPetros, Mntundini, andinguye.
22:59b.LUK.022.059 Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, nalo ubenaye; kuba ukwangowaseGalili.
22:60b.LUK.022.060 Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo. Kuthe kwangoko, esathetha, yalila inkuku.
22:61b.LUK.022.061 Yajika iNkosi, yondela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi, njengoko ibithe kuye, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.
22:62b.LUK.022.062 Waza uPetros, ephume phandle, walila ngokukrakra.
22:63b.LUK.022.063 Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya.
22:64b.LUK.022.064 Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo?
22:65b.LUK.022.065 Aye emthethela nezinye izinto ezininzi, enyelisa.
22:66b.LUK.022.066 Kuthe kwakusa, yahlanganisana intlanganiso yamadoda amakhulu abantu, nababingeleli abakhulu, kwanababhali, bamrholela entlanganisweni yabo yamatyala, besithi,
22:67b.LUK.022.067 Ukuba unguye uKristu wena, sixelele. Uthe ke yena kubo, Ukuba ndithe ndanixelela, anisayi kukholwa;
22:68b.LUK.022.068 nokuba ke ndithe ndanibuza, anisayi kundiphendula, anisayi kundikhulula.
22:69b.LUK.022.069 Ethabathela kweli xa, uNyana woMntu uya kuba ehleli ekunene kwamandla kaThixo.
22:70b.LUK.022.070 Bathi ke bonke, Unguye na ke wena uNyana kaThixo? Uthe ke yena kubo, Nani nithi ndinguye.
22:71b.LUK.022.071 Bathi ke bona, Sisabufunelani na ubungqina, kuba thina ngokwethu sivile ngomlomo wakhe.
23
23:1b.LUK.023.001 Yesuka yonke inkitha yabo, yamrholela kuPilato.
23:2b.LUK.023.002 Baqala ke ukummangalela, besithi, Simfumene lo elulahlekisa uhlanga, engavumi ukuba kunikelwe irhafu kuKesare, esithi, unguKristu uKumkani yena ngokwakhe.
23:3b.LUK.023.003 UPilato wambuza ke, esithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Umphendule ke yena wathi, Nawe utsho.
23:4b.LUK.023.004 Uthe ke uPilato kubabingeleli abakhulu nakwizihlwele, Andifumani tyala kulo mntu.
23:5b.LUK.023.005 Kwaba kukhona ke bajokisayo, besithi, Uxhokonxa abantu, efundisa kulo lonke elakwaYuda, eqalele kwelaseGalili, wada wezisa apha.
23:6b.LUK.023.006 Ke kaloku uPilato, akuva elaseGalili, wabuza ukuba umntu lo ngowaseGalili na.
23:7b.LUK.023.007 Wathi, akuqonda ukuba ngowasebukhosini bukaHerode, wamthumela kuHerode, obe eseYerusalem naye ngaloo mihla.
23:8b.LUK.023.008 Ke kaloku uHerode, akumbona uYesu, wavuya kunene; kuba bekumzuzu ethanda ukumbona, ngenxa yokuba ebeve kuthethwa izinto ezininzi ngaye; kanjalo wayethembe ukubona umqondiso usenziwa nguye.
23:9b.LUK.023.009 Wayembuza ke amazwi amaninzi; ke yena akamphendulanga nento.
23:10b.LUK.023.010 Bema ke ababingeleli abakhulu nababhali, bemmangalela kabukhali.
23:11b.LUK.023.011 UHerode ke, kwanempi yakhe, wamenza into engento, wadlala ngaye, wamthi wambu ngengubo eqaqambileyo, wamthumela kuPilato.
23:12b.LUK.023.012 Ngaloo mini baba zizihlobo ke uPilato noHerode; kuba ngenxa engaphambili babenobutshaba phakathi kwabo.
23:13b.LUK.023.013 Ke kaloku uPilato, ebabizele ndawonye ababingeleli abakhulu, nabaphathi bamaYuda, nabantu,
23:14b.LUK.023.014 wathi kubo, Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna emehlweni enu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo;
23:15b.LUK.023.015 kwanoHerode, kuba ndanithumela kuye. Nanku ke kungekho nto ifanelwe kukufa, yenziwe nguye.
23:16b.LUK.023.016 Ndothi ke ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.
23:17b.LUK.023.017 Ke kaloku, ubemelwe kukuthi abakhululele umbanjwa abe mnye, imithendeleko ngemithendeleko.
23:18b.LUK.023.018 Bankqangaza ke ngokuphela kwabo, besithi, Msuse lo, usikhululele uBharabhas,
23:19b.LUK.023.019 owayethe, ngenxa yesaqunge esithile, esibe senziwe phakathi komzi, kwanokubulala, waphoswa entolongweni.
23:20b.LUK.023.020 Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu.
23:21b.LUK.023.021 Ke bona bamana benkqangaza, besithi, Bethelela emnqamlezweni; mbethelele emnqamlezweni.
23:22b.LUK.023.022 Uthe ke yena okwesithathu kubo, Kuba enze bubi buni na lo? Andifumananga tyala lakufa kuye; ndothi ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.
23:23b.LUK.023.023 Bamxina ke bona ngezandi ezikhulu zamazwi, becela ukuba abethelelwe emnqamlezweni; aza ke eyisa amazwi abo, nawababingeleli abakhulu.
23:24b.LUK.023.024 Usuke ke uPilato wagweba ngelithi, masenziwe isicelo sabo.
23:25b.LUK.023.025 Wabakhululela ke owayethe ngenxa yesaqunge nokubulala waphoswa entolongweni, lowo babecela yena; wamnikela ekuthandeni kwabo uYesu.
23:26b.LUK.023.026 Kuthe ke xa bamrholayo, babamba Simon uthile, waseKirene, obevela emaphandleni; bawubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.
23:27b.LUK.023.027 Wayelandelwa ke yinkitha eninzi yabantu, neyabafazi ababemmbambazelela, bemlilela.
23:28b.LUK.023.028 Wabaguqukela ke uYesu, wathi, Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna; kanye zilileleni nina, nabantwana benu;
23:29b.LUK.023.029 ngokuba, yabonani, kuza imihla abaya kuthi ngayo, Banoyolo abaziindlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga.
23:30b.LUK.023.030 Oko baya kuqala bathi ezintabeni, Siweleni; nasezindulini, Sigubungeleni.
23:31b.LUK.023.031 Ngokuba ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?
23:32b.LUK.023.032 Ke kaloku baberhola nabanye abangabambi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye.
23:33b.LUK.023.033 Bathi ke bakufika kwindawo le kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo.
23:34b.LUK.023.034 Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso.
23:35b.LUK.023.035 Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo.
23:36b.LUK.023.036 Ayedlala ngaye ke namasoldati, esiza asondeze iviniga kuye,
23:37b.LUK.023.037 esithi, Ukuba wena unguye uKumkani wamaYuda, zisindise.
23:38b.LUK.023.038 Kwaye ke kubhalwe nombhalo ngaphezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, lo nguKumkani wamaYuda.
23:39b.LUK.023.039 Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise.
23:40b.LUK.023.040 Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje?
23:41b.LUK.023.041 Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo.
23:42b.LUK.023.042 Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho.
23:43b.LUK.023.043 UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje uya kuba nam eParadisi.
23:44b.LUK.023.044 Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwaba lilixa lesithoba.
23:45b.LUK.023.045 Lenziwa mnyama ilanga; isikhuselo sendawo eyingcwele sakrazuka phakathi.
23:46b.LUK.023.046 Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo.
23:47b.LUK.023.047 Ke kaloku umthetheli-khulu, akukubona okuhlileyo, wazukisa uThixo, esithi, Inene, lo mntu ubelilungisa.
23:48b.LUK.023.048 Zathi zonke izihlwele ezabe zibuthelene kuloo mbonelo, zakukubona okuhlileyo, zabuya zibetha izifuba zazo.
23:49b.LUK.023.049 Baye ke bonke abazana naye bemi kude, nabafazi ababelandelene naye, bevela kwelaseGalili, bezikhangela ezi zinto.
23:50b.LUK.023.050 Kwaye ke kukho indoda egama linguYosefu, engumphakathi, indoda elungileyo, elilungisa
23:51b.LUK.023.051 (yona yayingavumelananga necebo labo, nesenzo sabo), eyaseArimatiya, umzi wamaYuda, eyayibulindile nayo ubukumkani bukaThixo;
23:52b.LUK.023.052 eyathi yona yeza kuPilato, yawucela umzimba kaYesu.
23:53b.LUK.023.053 Yawuthula, yawusongela kwilinen entle; yawubeka engcwabeni elixholwe etyeni, ekungazanga kulale bani kulo.
23:54b.LUK.023.054 Loo mhla wawungowokulungiselela, nesabatha ibisondele.
23:55b.LUK.023.055 Ke kaloku nabafazi abalandelayo, abeza naye bephuma kwelaseGalili, balikhangela ingcwaba, nokubekwa komzimba wakhe.
23:56b.LUK.023.056 Babuya ke, balungisa ubulawu namafutha aqholiweyo. Bathi ngesabatha baphumla ngokomthetho.
24
24:1b.LUK.024.001 Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, ngesifingo sokusa, beza engcwabeni, bephethe ubulawu ababebulungisile, kukho nabanye abafazi nabo.
24:2b.LUK.024.002 Balifumana ke ilitye liqengqiwe, lesuka engcwabeni.
24:3b.LUK.024.003 Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu.
24:4b.LUK.024.004 Kwathi, ekukhohlweni kwabo yile nto, kwabonakala amadoda amabini, ebafikela, eneengubo ezibengezelayo.
24:5b.LUK.024.005 Ke kaloku, bakubon ukuba bangenelwe kukoyika, beqondele emhlabeni, athi kubo, Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo?
24:6b.LUK.024.006 Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko ebesekwelaseGalili,
24:7b.LUK.024.007 esithi, UNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu abangaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
24:8b.LUK.024.008 Bawakhumbula ke amazwi akhe;
24:9b.LUK.024.009 bebuyile engcwabeni, bazibika zonke ezo zinto kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye.
24:10b.LUK.024.010 Baye ke bengooMariya waseMagadala, noYohana, noMariya kaYakobi, nabanye ababenabo, abazixelayo ezo zinto kubapostile.
24:11b.LUK.024.011 Amazwi abo abonakala emehlweni abo engathi kukulavuza; abakholwa ngabo.
24:12b.LUK.024.012 Esukile ke uPetros, wagidima waya engcwabeni; athi eqondele, azibone iilinen abesongelwe kuzo, zilele zodwa; wagoduka, emangalisiwe koko kuhlileyo.
24:13b.LUK.024.013 Kwabonakala kusiya babini bakubo, kwangaloo mini, kumzana ozitadiya zimashumi mathandathu, umgama wawo neYerusalem, ogama liyiEmawusi.
24:14b.LUK.024.014 Baye bona bexoxa bodwa ngazo zonke izinto ezibe zihlile.
24:15b.LUK.024.015 Kwathi, ekuxoxeni kwabo, nasekubuzaneni kwabo, uYesu ngokwakhe wasondela wahamba nabo.
24:16b.LUK.024.016 Kuloko amehlo abo ayebanjiwe, ukuba bangamazi.
24:17b.LUK.024.017 Wathi ke kubo, Ziindawo zini na ezi nincokola ngazo, nihamba nibe nithe matshamatsha?
24:18b.LUK.024.018 Uphendule ke omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye, Umhambi eYerusalem apha nguwe wedwa na, ukuba ungazazi nje izinto ezihle khona ngazo ezi mini?
24:19b.LUK.024.019 Wathi kubo, Ziphi na? Bathi ke bona kuye, EzingoYesu waseNazarete, obeyindoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu;
24:20b.LUK.024.020 ukuba bathini na ababingeleli abakhulu nabaphathi bethu ukumnikela ukuba agwetywe afe, bambethelela nasemnqamlezweni.
24:21b.LUK.024.021 Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uSirayeli ngentlawulelo; kunjalonje ke, namhla lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto.
24:22b.LUK.024.022 Kananjalo abafazi abathile bethu, ababesengcwabeni kwakusasa, babethe sathi nqa.
24:23b.LUK.024.023 Bathe bengawufumani umzimba wakhe, beza besithi, babone nombono wezithunywa zezulu, ezithi zona, uhleli.
24:24b.LUK.024.024 Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga.
24:25b.LUK.024.025 Waza yena wathi kubo, Oyi! basweli-kuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthethayo abaprofeti!
24:26b.LUK.024.026 UKristu ubengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe?
24:27b.LUK.024.027 Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye.
24:28b.LUK.024.028 Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha.
24:29b.LUK.024.029 Besuka bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini iseyisangene. Wangena ukuba ahlale nabo.
24:30b.LUK.024.030 Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika.
24:31b.LUK.024.031 Avulwa ke amehlo abo, bamazi; wathi shwaka yena kubo.
24:32b.LUK.024.032 Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo?
24:33b.LUK.024.033 Besuka kwangelo lixa, babuyela eYerusalem, babafumana abalishumi elinamnye, bequkene ndawonye nabo babenabo,
24:34b.LUK.024.034 besithi, INkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon.
24:35b.LUK.024.035 Baye nabo bezichankcisa izinto zendlela, nokwazeka kwayo kubo ekuqhekezeni isonka.
24:36b.LUK.024.036 Ke kaloku, bakubon ukuba bayazithetha ezo zinto, uYesu ngokwakhe wema phakathi kwabo, wathi kubo, Uxolo malube nani.
24:37b.LUK.024.037 Besuka ke bankwantya, bangenelwa kukoyika, beba babone umshologu.
24:38b.LUK.024.038 Wathi kubo, Yini na ukuba nikhathazeke? Kungani na ke ukuba kunyuke izicamango ezintliziyweni zenu?
24:39b.LUK.024.039 Khangelani izandla zam neenyawo zam, ngokuba ndim kanye; ndicofeni, nikhangele; ngokuba umshologu awunanyama namathambo, njengokuba nindibona ndinawo mna.
24:40b.LUK.024.040 Utshilo, wababonisa izandla neenyawo zakhe.
24:41b.LUK.024.041 Ke kaloku, bakubon ukuba abakakholwa, ngenxa yovuyo, bemangalisiwe, wathi kubo, Ninanto na idliwayo apha?
24:42b.LUK.024.042 Bamnika ke intwana yentlanzi eyosiweyo, neyenqatha lobusi;
24:43b.LUK.024.043 wathabatha, wadla emehlweni abo.
24:44b.LUK.024.044 Uthe ke kubo, Ngawo la amazwi endawathethayo kuni ndisenani, okokuba zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam emthethweni kaMoses, nasebaprofetini, nasezindumisweni.
24:45b.LUK.024.045 Wandula wayivula ingqiqo yabo, ukuze baziqonde izibhalo;
24:46b.LUK.024.046 wathi kubo, Kubhaliwe ngokunjalo, umelwe ngokunjalo uKristu kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu;
24:47b.LUK.024.047 nokuba kuvakaliswe egameni lakhe inguquko noxolelo lwezono kuzo zonke iintlanga, kuqalelwa eYerusalem.
24:48b.LUK.024.048 Nina ke ningamangqina ezi zinto.
24:49b.LUK.024.049 Yabonani, mna ndilithumela kuni idinga likaBawo; ke nina hlalani kuwo umzi oyiYerusalem, nide nambathiswe amandla aphuma enyangweni.
24:50b.LUK.024.050 Ke kaloku wabarholela ngaphandle, kwada kwaya eBhetani; waziphakamisa izandla zakhe, wabasikelela.
24:51b.LUK.024.051 Kwathi, ekubasikeleleni kwakhe, wahluka kubo, wenyuswa wasiwa emazulwini.
24:52b.LUK.024.052 Baza bona, bakuba bequbudile kuye, babuyela eYerusalem benovuyo olukhulu.
24:53b.LUK.024.053 Bamana behleli etempileni, bedumisa, bebonga uThixo. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Luke (Xhosa). Luke (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3F1-B