Mark (Xhosa)

Mark (Xhosa)

1

1:1b.MAR.001.001 Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo.

1:2b.MAR.001.002 Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa, Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.

1:3b.MAR.001.003 Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Wulungiseni umendo weNkosi; Zityenenezeni iindlela zayo!

1:4b.MAR.001.004 Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono.

1:5b.MAR.001.005 Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.

1:6b.MAR.001.006 Waye ke kaloku uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe, abe ke esidla iinkumbi nobusi basendle.

1:7b.MAR.001.007 Wayememeza esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe.

1:8b.MAR.001.008 Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, ke yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.

1:9b.MAR.001.009 Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho.

1:10b.MAR.001.010 Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu likrazulwe, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe.

1:11b.MAR.001.011 Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.

1:12b.MAR.001.012 Uthi kwaoko uMoya amkhuphele entlango.

1:13b.MAR.001.013 Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mane, ehendwa nguSathana; waye endawonye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungiselela.

1:14b.MAR.001.014 Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo,

1:15b.MAR.001.015 esithi, Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.

1:16b.MAR.001.016 Uthe ke, ehamba ngaselwandle lwaseGalili, wabona uSimon, noAndreya umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; ngokuba babengababambisi beentlanzi.

1:17b.MAR.001.017 Wathi kubo uYesu, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.

1:18b.MAR.001.018 Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.

1:19b.MAR.001.019 Uhambele phambili kancinane esuka apho, wabona uYakobi, lo kaZebhedi, noYohane, umzalwana wakhe, besemkhombeni wabo, beyilungisa iminatha yabo.

1:20b.MAR.001.020 Wababiza kwaoko; bamshiya uyise uZebhedi emkhombeni enabaqeshwa, besuka bamlandela.

1:21b.MAR.001.021 Bangena eKapernahum. Engene kwaoko ngesabatha endlwini yesikhungu, wafundisa.

1:22b.MAR.001.022 Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.

1:23b.MAR.001.023 Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wakhala,

1:24b.MAR.001.024 esithi, Yoo! Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.

1:25b.MAR.001.025 Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye.

1:26b.MAR.001.026 Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye.

1:27b.MAR.001.027 Baqhiphuka umbilini bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Le mfundiso intsha yiyiphi na, le nto noomoya abangcolileyo aba abathethela ngegunya, bamlulamele?

1:28b.MAR.001.028 Lwaphuma ke kwaoko udumo lwakhe; lwaya kuwo wonke ummandla welaseGalili.

1:29b.MAR.001.029 Kwaoko, bakuphuma endlwini yesikhungu, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.

1:30b.MAR.001.030 Ke kaloku umkhwekazi kaSimon wayelele, esifa yicesina; bamxelela ngaye kwaoko.

1:31b.MAR.001.031 Weza ke kuye, wamvusa embambe ngesandla; yamyeka kwaoko icesina, wabalungiselela.

1:32b.MAR.001.032 Ke kaloku, kwakuhlwa, xa litshonayo ilanga, bazisa kuye bonke ababesifa, nababephethwe ziidemon.

1:33b.MAR.001.033 Waye umzi wonke uhlanganisene ndawonye emnyango apho.

1:34b.MAR.001.034 Waphilisa babaninzi ababesifa zizifo ngezifo; wakhupha needemon ezininzi; waye engazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba bezimazi.

1:35b.MAR.001.035 Uthe kusasa, kusemnyama kakhulu, wavuka, waphuma waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho.

1:36b.MAR.001.036 Bamphuthuma ooSimon nabo babenaye.

1:37b.MAR.001.037 Bemfumene bathi kuye, Bonke bayakufuna.

1:38b.MAR.001.038 Athi kubo, Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko.

1:39b.MAR.001.039 Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon.

1:40b.MAR.001.040 Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.

1:41b.MAR.001.041 UYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; hlambuluka.

1:42b.MAR.001.042 Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka.

1:43b.MAR.001.043 Akuba emyalile kalukhuni, wamkhupha kwaoko.

1:44b.MAR.001.044 Athi kuye, Lumka ungaxeleli bani nento le; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze ngenxa yokuhlanjululwa kwakho ezo zinto wamisa zona uMoses, zibe bubungqina kubo.

1:45b.MAR.001.045 Ke yena, akuphuma, waqala ukuyivakalisa kakhulu nokuyibhengeza loo ndawo, ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena mzini ekuhleni; waba ngaphandle ezindaweni eziziintlango; babesithi beze kuye bevela ngeenxa zonke.

2

2:1b.MAR.002.001 Kwakuba ntsuku, wabuya wangena eKapernahum; kwavakala ukuba usekhaya,

2:2b.MAR.002.002 Kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi.

2:3b.MAR.002.003 Kuthi kufike kuye abantu bezisa onedumbe, ethwelwe ngabane.

2:4b.MAR.002.004 Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika entungo apho abekhona; bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe.

2:5b.MAR.002.005 Akulubona ke uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho.

2:6b.MAR.002.006 Kwaye ke kukho apho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi,

2:7b.MAR.002.007 Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, mnye kwaphela, nguThixo?

2:8b.MAR.002.008 Eqiqe kwaoko uYesu ngomoya wakhe, ukuba benjenjalo ukucamanga ngaphakathi kwabo, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu?

2:9b.MAR.002.009 Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi konedumbe, Uzixolelwe izono; kukho nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe?

2:10b.MAR.002.010 Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (uthi konedumbe),

2:11b.MAR.002.011 Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.

2:12b.MAR.002.012 Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke, ngokokude bathi nqa bonke, bamzukise uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje.

2:13b.MAR.002.013 Wabuya waphuma waya ngaselwandle, saye sonke isihlwele sisiza kuye; wayebafundisa.

2:14b.MAR.002.014 Wathi edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu; athi kuye, Ndilandele. Wesuka wamlandela.

2:15b.MAR.002.015 Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela.

2:16b.MAR.002.016 Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe. Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni?

2:17b.MAR.002.017 Ekuvile ke oko uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.

2:18b.MAR.002.018 Baye abafundi bakaYohane nababaFarisi bezila ukudla; beze bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane nababaFarisi bazile ukudla, kanti ke abakho abafundi abakuzili bona?

2:19b.MAR.002.019 Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukuzila ukudla, xa anabo umyeni? Lo gama wonke asekubo umyeni, abanako ukuzila ukudla.

2:20b.MAR.002.020 Ke kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni; baya kwandula ke ukuzila ngaloo mihla.

2:21b.MAR.002.021 Akukho uthungela isiziba somchako omtsha engutyeni endala; okanye ke eso sifakiweyo, sitsha, sokrazula kuyo endala, sibe sibi ngokunye isikroba.

2:22b.MAR.002.022 Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha imelwe kukuthiwa ezintsubeni ezintsha.

2:23b.MAR.002.023 Kwathi ehamba ecanda emasimini ngesabatha, baqala abafundi bakhe ukuhamba besikha izikhwebu.

2:24b.MAR.002.024 Baye besithi kuye abaFarisi, Khangela, yini na ukuba benze ngemini yesabatha oko kungavumelekileyo?

2:25b.MAR.002.025 Wathi yena kubo; Anizanga niyilese na into awayenzayo uDavide, oko wayeswele, elambile nokulamba, yena nabo babenaye?

2:26b.MAR.002.026 Okokuba wangena endlwini kaThixo ngexesha lika-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazidla izonka ezibekwe phambi koThixo, ezo kungavumelekileyo ukuba zidliwe ngabo bangebabingeleli, wanika nabo babenaye?

2:27b.MAR.002.027 Wayesithi kubo, Isabatha le yabakho ngenxa yomntu, asingumntu owabakhoyo ngenxa yesabatha.

2:28b.MAR.002.028 Ngoko ke uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.

3

3:1b.MAR.003.001 Wabuya wangena endlwini yesikhungu. Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo.

3:2b.MAR.003.002 Baye bemlalele, ukuba womphilisa na ngesabatha, ukuze bammangalele.

3:3b.MAR.003.003 Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi.

3:4b.MAR.003.004 Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Ke bahlala bathi tu.

3:5b.MAR.003.005 Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, uthi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye.

3:6b.MAR.003.006 Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise.

3:7b.MAR.003.007 Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya elwandle; yamlandela inkitha eninzi, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaYuda,

3:8b.MAR.003.008 naseYerusalem, nakwelakwaIdume, naphesheya kweYordan; nabo bangaseTire nabaseTsidon, inkitha eninzi; bathi, bakuva izinto ezinkulu abezenza, beza kuye.

3:9b.MAR.003.009 Wathi kubafundi bakhe, umkhonjana mawuhlale umlindile ngenxa yezihlwele, ukuze bangamxini.

3:10b.MAR.003.010 Kuba waphilisa babaninzi, ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho;

3:11b.MAR.003.011 nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Unguye wena uNyana kaThixo.

3:12b.MAR.003.012 Wayebakhalimela kakhulu ukuba bangamtyhili.

3:13b.MAR.003.013 Uthi ke anyuke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; besuka beza kuye.

3:14b.MAR.003.014 Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo,

3:15b.MAR.003.015 babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon.

3:16b.MAR.003.016 YanguSimon, awamthiya igama elinguPetros;

3:17b.MAR.003.017 yanguYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi, ngabeendudumo;

3:18b.MAR.003.018 yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan,

3:19b.MAR.003.019 noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha.

3:20b.MAR.003.020 Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka.

3:21b.MAR.003.021 Bevile abakowabo, baphuma beya kumbamba; kuba babesithi, Uyageza.

3:22b.MAR.003.022 Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, UnoBhelezebhule; besithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.

3:23b.MAR.003.023 Uthe ebabizele kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angathini na uSathana ukukhupha uSathana?

3:24b.MAR.003.024 Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani;

3:25b.MAR.003.025 nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu;

3:26b.MAR.003.026 noSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile.

3:27b.MAR.003.027 Akukho unako ukuthi impahla yegorha angene endlwini yalo ayiphange, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo, andule ukuyiphanga indlu yalo.

3:28b.MAR.003.028 Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo;

3:29b.MAR.003.029 ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade.

3:30b.MAR.003.030 Watsho kuba besithi, Unomoya ongcolileyo.

3:31b.MAR.003.031 Bafika ke kaloku abazalwana bakhe nonina; bathi, bemi ngaphandle, bathumela kuye bembiza.

3:32b.MAR.003.032 Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna.

3:33b.MAR.003.033 Wabaphendula esithi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam?

3:34b.MAR.003.034 Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, uthi, Nanku uma nabazalwana bam.

3:35b.MAR.003.035 Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.

4

4:1b.MAR.004.001 Wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle. Kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu, ngokokude aye kungena emkhombeni, ahlale elwandle yena; sabe sonke isihlwele sisemhlabeni, sibheke elwandle apho.

4:2b.MAR.004.002 Wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso. Ubesithi kubo ekubafundiseni kwakhe,

4:3b.MAR.004.003 Phulaphulani; yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela;

4:4b.MAR.004.004 kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba.

4:5b.MAR.004.005 Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ibingenabunzulu bamhlaba;

4:6b.MAR.004.006 ithe ke, lakuphuma ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela.

4:7b.MAR.004.007 Yimbi yawa emithaneni enameva; yakhula imithana enameva yayiminxa; ayanika siqhamo.

4:8b.MAR.004.008 Yimbi yawa kuwo wona umhlaba omhle, yanika isiqhamo esakhulayo sachuma; yathwala amashumi amathathu enye, namashumi amathandathu enye, nekhulu enye.

4:9b.MAR.004.009 Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve.

4:10b.MAR.004.010 Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo.

4:11b.MAR.004.011 Wathi kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ke kwabo bangaphandle zonke izinto ezi zibakho ngemizekeliso;

4:12b.MAR.004.012 ukuze bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze babuye, zebaxolelwe izono zabo.

4:13b.MAR.004.013 Athi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nothini na ke ukuyazi imizekeliso yonke?

4:14b.MAR.004.014 Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi.

4:15b.MAR.004.015 Abo ke bangasendleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba kuthi, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo.

4:16b.MAR.004.016 Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya;

4:17b.MAR.004.017 babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko.

4:18b.MAR.004.018 Abo bahlwayelwayo emithaneni enameva ngaba, bathi balive ilizwi;

4:19b.MAR.004.019 aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingene ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.

4:20b.MAR.004.020 Abo bahlwayelweyo kuwo umhlaba omhle ngaba, basakuthi balive ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.

4:21b.MAR.004.021 Wayesithi kubo, Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo? Asiziswa na ukuze sibekwe esiphathweni saso?

4:22b.MAR.004.022 Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakaliswa; kananjalo akubangakho nto ifihliweyo ingafihlelwa ukuba ize ekuhleni.

4:23b.MAR.004.023 Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.

4:24b.MAR.004.024 Wayesithi kubo, Yilumkeleni into eniyivayo; umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo.

4:25b.MAR.004.025 Kuba osukuba enako uya kunikwa, nongenako uya kuhluthwa kwanoko anako.

4:26b.MAR.004.026 Wayesithi, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni;

4:27b.MAR.004.027 aze alale, avuke, ubusuku nemini, ibe imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo.

4:28b.MAR.004.028 Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo, kuqala ibe likhaba, ize ibe sisikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini;

4:29b.MAR.004.029 athi ke, xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna.

4:30b.MAR.004.030 Wayesithi, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kubuzekelisa ngamzekeliso mni na?

4:31b.MAR.004.031 Bunjengokhozo lwemostade; lona luthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni;

4:32b.MAR.004.032 luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi walo.

4:33b.MAR.004.033 Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva.

4:34b.MAR.004.034 Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe.

4:35b.MAR.004.035 Athi kubo kwangaloo mini, kwakuhlwa, Masiwele siye ngaphesheya.

4:36b.MAR.004.036 Besindulule isihlwele, bamthabatha esemkhombeni njalo; kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye.

4:37b.MAR.004.037 Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku.

4:38b.MAR.004.038 Waye yena esesinqeni somkhombe, elele ubuthongo phezu komqamelo; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?

4:39b.MAR.004.039 Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu.

4:40b.MAR.004.040 Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Kutheni na, le nto ningenalukholo?

4:41b.MAR.004.041 Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle?

5

5:1b.MAR.005.001 Bafika phesheya kolwandle kummandla wabaseGadara.

5:2b.MAR.005.002 Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo, ephuma emangcwabeni,

5:3b.MAR.005.003 obehlala emangcwabeni apho. Kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane;

5:4b.MAR.005.004 ngenxa yokuba wayebotshwe futhi ngamakhamandela nangemixokelelwane, asuke ayijace yena imixokelelwane, awakroboze namakhamandela; kwaye kungekho bani unamandla okumdambisa.

5:5b.MAR.005.005 Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezijeca ngamatye.

5:6b.MAR.005.006 Uthe ke akumbona UYesu ekude, wagidima, waya waqubuda kuye,

5:7b.MAR.005.007 wakhala ngezwi elikhulu, wathi, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi.

5:8b.MAR.005.008 Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo.

5:9b.MAR.005.009 Wayembuza esithi, Ungubani na wena igama? Waphendula esithi, NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi.

5:10b.MAR.005.010 Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe.

5:11b.MAR.005.011 Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.

5:12b.MAR.005.012 Zambongoza zonke iidemon, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo.

5:13b.MAR.005.013 Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho.

5:14b.MAR.005.014 Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na.

5:15b.MAR.005.015 Bafike kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika.

5:16b.MAR.005.016 Abo babeyibonile le nto babacokisela, ukuba kuthekeni na kobephethwe ziidemon; kwanokweehagu.

5:17b.MAR.005.017 Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo.

5:18b.MAR.005.018 Akubon’ ukuba ungene emkhombeni, wathi lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye.

5:19b.MAR.005.019 Kodwa uYesu akamvumelanga. Usuke wathi kuye, Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba engaka kuwe.

5:20b.MAR.005.020 Wemka, waqala ukuzivakalisa eDekapoli oko zingako ukuba zinkulu izinto uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke.

5:21b.MAR.005.021 Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho.

5:22b.MAR.005.022 Kubonakele kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; athi akumbona, awe ezinyaweni zakhe,

5:23b.MAR.005.023 ambongoze kunene, esithi, Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila.

5:24b.MAR.005.024 Wesuka wahamba naye; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile.

5:25b.MAR.005.025 Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini,

5:26b.MAR.005.026 eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu:

5:27b.MAR.005.027 yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe;

5:28b.MAR.005.028 kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa.

5:29b.MAR.005.029 Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho.

5:30b.MAR.005.030 UYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam?

5:31b.MAR.005.031 Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na ondichukumisileyo?

5:32b.MAR.005.032 Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto.

5:33b.MAR.005.033 Ithe ke intokazi leyo, isoyika, igubha, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi kuye, yamxelela inyaniso yonke.

5:34b.MAR.005.034 Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho.

5:35b.MAR.005.035 Kuthi esathetha yena, kufike abakulomphathi wendlu yesikhungu, besithi, Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na uMfundisi?

5:36b.MAR.005.036 Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena.

5:37b.MAR.005.037 Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi.

5:38b.MAR.005.038 Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu.

5:39b.MAR.005.039 Akungena uthi kubo, Yini na ukuba niphithizele nilile? Akafile umntwana, ulele.

5:40b.MAR.005.040 Basuka bamwa ngentsini. Athi akubakhupha bona bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana.

5:41b.MAR.005.041 Ambambe ngesandla umntwana, athi kuye, Talita, kumi; oko kukuthi, ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka!

5:42b.MAR.005.042 Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba; kuba ibiminyaka ilishumi elinamibini izelwe. Bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu.

5:43b.MAR.005.043 Wabayala kakhulu ukuba kungaziwa mntu oku; watsho nokuthi, mayiphiwe idle.

6

6:1b.MAR.006.001 Waphuma apho ke weza kwelakowabo; bamlandela abafundi bakhe.

6:2b.MAR.006.002 Uthe kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla enjengale yenzekayo ngezandla zakhe?

6:3b.MAR.006.003 Lo akayiyo na ingcibi yokwakha, unyana kaMariya, umzalwana ke kaYakobi noYose noYuda noSimon? Noodade babo abakuthi apha na? Baye bekhubeka kuye.

6:4b.MAR.006.004 Wayesithi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakwizizalwana zakhe, nakokwabo.

6:5b.MAR.006.005 Wayengenako ukwenza na mnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa.

6:6b.MAR.006.006 Wamangaliswa kukungakholwa kwabo. Wayeyihambahamba imizana ejikeleza, efundisa.

6:7b.MAR.006.007 Ubabizele kuye abalishumi elinababini, waqala ukubathuma ngababini, ngababini; wayebanika igunya koomoya abangcolileyo;

6:8b.MAR.006.008 wabathethela ngelithi, mabangaphathi nto yandlela, ibe ngumsimelelo wodwa; bangaphathi ngxowa, nasonka, namali embhinqweni;

6:9b.MAR.006.009 bathi kodwa banxibe izixathula; bangambathi neengubo zangaphantsi ngambini.

6:10b.MAR.006.010 Wayesithi kubo, Apho nithe nangena endlwini, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo.

6:11b.MAR.006.011 Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom nokweGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.

6:12b.MAR.006.012 Baphuma bavakalisa ukuba mabaguquke abantu.

6:13b.MAR.006.013 Bakhupha needemon ezininzi, bayithambisa ngeoli imilwelwe emininzi, beyiphilisa.

6:14b.MAR.006.014 Ke kaloku wakuva oko ukumkani uHerode (kuba igama lakhe lalithe laduma); wayesithi, Uvukile kwabafileyo uYohane umbhaptizi; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyenzeka ngaye.

6:15b.MAR.006.015 Baye abanye besithi, NguEliya; baye ke abanye besithi, Ngumprofeti, nokuba ufana nomnye wakubaprofeti.

6:16b.MAR.006.016 Ekuvile ke oko uHerode, wathi, Lo nguYohane, lowa ndamnqamla intloko mna; uvukile kwabafileyo.

6:17b.MAR.006.017 Kuba uHerode ngokwakhe wabethe wathuma, wambamba uYohane, wambopha entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umzalwana wakhe; kuba ebemzekile.

6:18b.MAR.006.018 Kuba wayesithi uYohane kuHerode, Akuvumelekile ukuba ube nomfazi womzalwana wakho.

6:19b.MAR.006.019 Ke kaloku uHerodiya waba nenqala ngakuye, wafuna ukumbulala; kodwa akabanga nako;

6:20b.MAR.006.020 kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elilungisa, engcwele, wayemgcinile; wayesithi ke akumva, enze iindawo ezininzi, amve kamnandi.

6:21b.MAR.006.021 Kwathi, kwakufika umhla owamlungelayo uHerodiya, xeshikweni uHerode ngemini yokuzalwa kwakhe wayezenzela isidlo izidwangube zakhe, nabathetheli-waka, namanene elaseGalili,

6:22b.MAR.006.022 yakubon’ ukuba ingene intombi kaHerodiya lowo, yangqungqa, yamkholisa uHerode nabo babehleli ndawonye naye. Wathi ukumkani kwintombazana leyo, Ndicele into osukuba uyithanda; ndokupha.

6:23b.MAR.006.023 Wayifungela ngelithi, Into othe wayicela kum ndokupha, kude kube kwisiqingatha sobukumkani bam.

6:24b.MAR.006.024 Iphumile ke yathi kunina, Ndicele ntoni na? Wathi ke yena, Intloko kaYohane umbhaptizi.

6:25b.MAR.006.025 Yeza kungena kwaoko ngokungxama kuye ukumkani, yacela, isithi, Ndithanda ukuba undinike kalokunje ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.

6:26b.MAR.006.026 Waba buhlungu kakhulu ukumkani; noko, ngenxa yezifungo zakhe, nangenxa yabo babehleli ndawonye naye, akathandanga kuyilandulela.

6:27b.MAR.006.027 Uthe kwaoko ukumkani wasusa umsiki, wamthethela ngelithi, mayiziswe intloko yakhe. Wesuka waya ke lowo, wamnqumla intloko entolongweni.

6:28b.MAR.006.028 Wayizisa intloko yakhe ngesitya, wayinika intombazana leyo; yaza intombazana yayinika unina.

6:29b.MAR.006.029 Bekuvile oko abafundi bakhe, beza basithabatha isidumbu sakhe, basibeka engcwabeni.

6:30b.MAR.006.030 Bathi bahlanganisana abapostile kuYesu, bambikela iinto zonke, ezo babezenzile, kwanezo babezifundisile.

6:31b.MAR.006.031 Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane; kuba bebaninzi abezayo nabemkayo; babengenalo ke nethutyana lokuba badle.

6:32b.MAR.006.032 Bemka ngomkhombe ngasese, baya kwindawo eyintlango.

6:33b.MAR.006.033 Isihlwele sababona bemka bathi abaninzi bamazi, babalekela khona ngeenyawo, bevela kuyo yonke imizi; babaphangela, bathuthelana kuye.

6:34b.MAR.006.034 Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi.

6:35b.MAR.006.035 Kuthi kwakubon’ ukuba seyihambile kakhulu imini, beze kuye abafundi bakhe, bathi, Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu;

6:36b.MAR.006.036 bandulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo.

6:37b.MAR.006.037 Waphendula wathi kubo, Bapheni nina badle. Bathi kuye, Simke na siye kuthenga izonka ngeedenariyo ezimakhulu mabini, sibaphe badle?

6:38b.MAR.006.038 Uthi ke yena kubo, Izonka eninazo zingaphi na? Hambani niye kukhangela. Besazi, bathi, Zihlanu, neentlanzi ezimbini.

6:39b.MAR.006.039 Wabathethela ngelithi, mababangqengqise bonke, babe ziziqhu ngeziqhu engceni eluhlaza.

6:40b.MAR.006.040 Bahlala phantsi beziingcamba ngeengcamba ngamakhulu, nangamashumi ngamahlanu.

6:41b.MAR.006.041 Wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi ekhangele ezulwini wasikelela, waziqhekeza izonka, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; wathi neentlanzi zombini wazabela bona bonke.

6:42b.MAR.006.042 Badla ke bonke bahlutha.

6:43b.MAR.006.043 Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi.

6:44b.MAR.006.044 Baye abo babezidla izonka ezo bekumawaka omahlanu amadoda.

6:45b.MAR.006.045 Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena.

6:46b.MAR.006.046 Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni.

6:47b.MAR.006.047 Ke kaloku, kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, waye yena eyedwa emhlabeni.

6:48b.MAR.006.048 Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesine ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga uza kugqitha kubo.

6:49b.MAR.006.049 Bathi ke, bakumbona ehamba phezu kolwandle, baba ngumshologu, bakhala;

6:50b.MAR.006.050 kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika.

6:51b.MAR.006.051 Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa;

6:52b.MAR.006.052 kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile.

6:53b.MAR.006.053 Bakuphumela, bafika ezweni laseGenesarete, batsalela elunxwemeni.

6:54b.MAR.006.054 Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko abantu;

6:55b.MAR.006.055 bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebasa apho babemva ukuba ukhona.

6:56b.MAR.006.056 Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemzini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezindaweni zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke besindiswa abasukuba bemchukumisa.

7

7:1b.MAR.007.001 Kwahlanganisana kuye abaFarisi, nabathile kubabhali, bevela eYerusalem;

7:2b.MAR.007.002 bathi, bakubona abathile kubafundi bakhe besidla isonka ngezandla eziziinqambi, oko kukuthi ngezingahlanjwanga, basuka basola.

7:3b.MAR.007.003 Kuba abaFarisi namaYuda onke abadli, ukuba abakhanga bazihlambe izandla kunene, bebambe isithethe samanyange.

7:4b.MAR.007.004 Nokuba bavela endaweni yembutho, abadli bengakhanga bahlambe; zikho nezinye izinto ezininzi, abazamkele ukuba bazibambe, ezinjengeentlambo zeendebe, neebhekile, nezitya zobhedu, nezingqengqelo.

7:5b.MAR.007.005 Bandula bambuza abaFarisi nababhali, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho bangahambi ngokwesithethe samanyange, le nto badla isonka ngezandla ezingahlanjwanga?

7:6b.MAR.007.006 Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum.

7:7b.MAR.007.007 Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.

7:8b.MAR.007.008 Kuba nithi, niwuyeka okaThixo umthetho, nibambe isithethe sabantu esinjengeentlambo zeebhekile neendebe; naye nizenza nezinye izinto ezininzi ezinjengezo.

7:9b.MAR.007.009 Wayesithi kubo, Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nisigcine isithethe senu.

7:10b.MAR.007.010 Kuba uMoses wathi, Beka uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela kakubi uyise, nokuba ngunina, makafe ukufa;

7:11b.MAR.007.011 ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, Ingumsondezo, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo into ongewuba uncedwa ngayo ndim, ukholisile;

7:12b.MAR.007.012 ningabi samvumela ukuba amenzele nto, nokuba nguyise nokuba ngunina;

7:13b.MAR.007.013 niliphanga igunya ilizwi likaThixo ngesithethe senu enasinikelayo, naye nizenza izinto ezininzi ezinjengezo.

7:14b.MAR.007.014 Wayibizela kuye yonke indimbane, wathi kubo, Phulaphulani kum nonke, niqonde:

7:15b.MAR.007.015 akukho nto ingaphandle komntu ethi ingena kuye ibe nako ukumenza inqambi; zizinto eziphumayo kuye ezimenza inqambi umntu.

7:16b.MAR.007.016 Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.

7:17b.MAR.007.017 Baye ke, xa ebengene endlwini, evela kuyo indimbane, bembuza abafundi bakhe umzekeliso lowo.

7:18b.MAR.007.018 Athi kubo, Nikwanje nani na ukuswela ingqondo? Aniqiqi na, ukuba konke okungaphandle, okuthi kungene emntwini, akunako ukumenza inqambi?

7:19b.MAR.007.019 Ngokuba akungeni khona entliziyweni yakhe; kungena esiswini; ize kuphume kuye endaweni esese, ezihlambululayo zonke izidlo.

7:20b.MAR.007.020 Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu;

7:21b.MAR.007.021 kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala,

7:22b.MAR.007.022 oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda;

7:23b.MAR.007.023 zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.

7:24b.MAR.007.024 Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon. Wangena endlwini, wanga akungaziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko.

7:25b.MAR.007.025 Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe;

7:26b.MAR.007.026 yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo.

7:27b.MAR.007.027 Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.

7:28b.MAR.007.028 Yaphendula ke yathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana.

7:29b.MAR.007.029 Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho.

7:30b.MAR.007.030 Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesi ngqengqelo.

7:31b.MAR.007.031 Uthe wabuya waphuma emideni yaseTire neyaseTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kwemida yaseDekapoli.

7:32b.MAR.007.032 Bazisa ke isithulu esithintithayo, bambongoza ukuba abeke isandla phezu kwaso.

7:33b.MAR.007.033 Wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe yakhe ezindlebeni zaso, wathi etshicile, wachukumisa ulwimi lwaso,

7:34b.MAR.007.034 wakhangela ezulwini, wancwina, wathi kuso, Efata, oko kukuthi, Vuleka.

7:35b.MAR.007.035 Zavuleka kwaoko iindlebe zaso, zacombuluka iingqambu zolwimi lwaso, sathetha salungisa.

7:36b.MAR.007.036 Wabayala ukuba mabangaxeleli bani; kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kukhona bakuvakalisa ngakumbi.

7:37b.MAR.007.037 Bakhwankqiswa ngokuncamisileyo kanye, besithi, Uzenze iinto zonke kakuhle; uzenza nezithulu zive, nabangenakuthetha bathethe.

8

8:1b.MAR.008.001 Ngaloo mihla, sakuba sikhulu kakhulu isihlwele, singenanto singayidlayo, wababizela kuye abafundi bakhe uYesu, athi kubo,

8:2b.MAR.008.002 Ndisikwa yimfesane ngenxa yesihlwele; ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo;

8:3b.MAR.008.003 ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude.

8:4b.MAR.008.004 Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wokuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha?

8:5b.MAR.008.005 Wayebabuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe.

8:6b.MAR.008.006 Wasithethela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuze babeke phambi kwabo; babeka ke phambi kwaso isihlwele.

8:7b.MAR.008.007 Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo.

8:8b.MAR.008.008 Badla ke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe.

8:9b.MAR.008.009 Ke kaloku abo babesidla ngathi babemawaka mane; wabandulula.

8:10b.MAR.008.010 Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta.

8:11b.MAR.008.011 Baphuma abaFarisi baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ovela emazulwini, bemlinga.

8:12b.MAR.008.012 Encwinile kanzulu ngomoya wakhe, athi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene ndithi kuni, Unakanye ukuba sinikwe umqondiso esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene ndithi kuni, Unakanye ukuba sinikwe umqondiso esi sizukulwana.

8:13b.MAR.008.013 Wabashiya, wabuya wangena emkhombeni, wemka waya ngaphesheya.

8:14b.MAR.008.014 Baye belibele ukuphatha izonka; babengenanto banayo emkhombeni, ngaphandle kwesonka esinye.

8:15b.MAR.008.015 Wabayala esithi, Ligqaleni, nililumkele, igwele labaFarisi, negwele likaHerode.

8:16b.MAR.008.016 Baye becamanga besitshono ukuthi, Kungokuba singenazonka.

8:17b.MAR.008.017 Ekwazi oko uYesu, athi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqiqi na, anikaqondi na? Isaqaqadekile na intliziyo yenu?

8:18b.MAR.008.018 Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na?

8:19b.MAR.008.019 Okuya ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zaye zingaphi na izitya ezizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Zazilishumi elinazibini.

8:20b.MAR.008.020 Okuya ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke, Zazisixhenxe.

8:21b.MAR.008.021 Wayesithi kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?

8:22b.MAR.008.022 Uthi aze kufika eBhetesayida; bazise imfama kuye, bambongoze ukuba ayichukumise.

8:23b.MAR.008.023 Uthe, eyibambe ngesandla imfama, wayirholela ngaphandle komzi; watshica emehlweni ayo, wabeka izandla phezu kwayo, wayibuza ukuba ibona nto na?

8:24b.MAR.008.024 Yaza yakhangela phezulu yathi, Ndiyababona abantu; kuba ndibanakana behamba, ngathi yimithi.

8:25b.MAR.008.025 Wabuya wazibeka izandla phezu kwamehlo ayo, wayikhangelisa phezulu; yabuya yaphila, yababona bonke kakuhle.

8:26b.MAR.008.026 Uthi ayithumele endlwini yayo, esithi, Uze ungangeni kuwo umzi, ungathethi nakubani kuwo umzi.

8:27b.MAR.008.027 Waphuma uYesu nabafundi bakhe, waya emizini yaseKesareya kaFilipu; waye endleleni ebabuza abafundi bakhe, esithi kubo, Kuthiwa ngabantu ndingubani na mna?

8:28b.MAR.008.028 Baphendula ke bona ngokuthi, Bathi unguYohane umbhaptizi; abanye bathi unguEliya; bambi ke bathi ungomnye wabaprofeti.

8:29b.MAR.008.029 Athi yena kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Aphendule ke uPetros athi kuye, Wena unguye uKristu.

8:30b.MAR.008.030 Wabakhalimela ukuba bangaxeleli bani ngaye.

8:31b.MAR.008.031 Waqala ukubafundisa, okokuba uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi emveni kweentsuku ezintathu abuye avuke.

8:32b.MAR.008.032 Elo zwi wayelithetha ngokungafihlisiyo. UPetros wamthabathela kuye, waqala ukumkhalimela.

8:33b.MAR.008.033 Uthe ke yena, ejikile, wabakhangela abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, esithi, Suka uye emva kwam, Sathana; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekele ezabantu.

8:34b.MAR.008.034 Esibizele kuye isihlwele, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele ke.

8:35b.MAR.008.035 Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa.

8:36b.MAR.008.036 Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ngumphefumlo wakhe?

8:37b.MAR.008.037 Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?

8:38b.MAR.008.038 Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.

9

9:1b.MAR.009.001 Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla.

9:2b.MAR.009.002 Uthi uYesu, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Waza wenziwa wakumila kumbi phambi kwabo.

9:3b.MAR.009.003 Zasuka neengubo zakhe zabengezela, zamhlophe kunene njengekhephu, ekungekho mchazi wangubo emhlabeni apha unako ukuzenza mhlophe kangako.

9:4b.MAR.009.004 Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu.

9:5b.MAR.009.005 Uthi aphendule uPetros athi kuYesu, Rabhi, kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.

9:6b.MAR.009.006 Kuba ubengayazi into abengayithethayo; kuba bebesoyika kakhulu.

9:7b.MAR.009.007 Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi; kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.

9:8b.MAR.009.008 Bakuthi ukusingasinga, ababa sabona mntu, babona selinguYesu yedwa onabo.

9:9b.MAR.009.009 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, kungaba kude kube kuxa athe wavuka kwabafileyo uNyana woMntu.

9:10b.MAR.009.010 Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na.

9:11b.MAR.009.011 Baye bembuza besithi, Bathini na ababhali, ukuthi uEliya umelwe kukufika tanci?

9:12b.MAR.009.012 Uphendule ke wathi kubo, UEliya okunene, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; wabaxelela nokokuba kuthiweni na ukubhalwa ngaye uNyana woMntu, ukuba ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto.

9:13b.MAR.009.013 Ke ndithi kuni, Ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.

9:14b.MAR.009.014 Akufika kubafundi, wabona isihlwele esikhulu sibaphahlile, nababhali bebuzana nabo.

9:15b.MAR.009.015 Sathi kwaoko sonke isihlwele sakumbona saqhiphuka umbilini; beza kuye ngokubaleka, bambulisa.

9:16b.MAR.009.016 Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo?

9:17b.MAR.009.017 Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo;

9:18b.MAR.009.018 apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethe kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; bakhohlwa.

9:19b.MAR.009.019 Amphendule ke yena athi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndikuni? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum.

9:20b.MAR.009.020 Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; wawa emhlabeni, wamana eqikaqikeka, elephuza amagwebu.

9:21b.MAR.009.021 Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto. Wathi ke yena, Kwaesengumntwana;

9:22b.MAR.009.022 umphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; ukuba unako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi.

9:23b.MAR.009.023 Wathi ke uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo.

9:24b.MAR.009.024 Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; siza, ususe ukungakholwa kwam.

9:25b.MAR.009.025 Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye.

9:26b.MAR.009.026 Wakhala wona, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma; waba njengofileyo, bada abaninzi bathi, Ufile.

9:27b.MAR.009.027 Uthe ke uYesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema.

9:28b.MAR.009.028 Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina?

9:29b.MAR.009.029 Wathi kubo, Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.

9:30b.MAR.009.030 Bephumile apho, babehamba becanda kwelaseGalili; wayengathandi ukuba kwazi bani;

9:31b.MAR.009.031 kuba wayebafundisa abafundi bakhe, esithi kubo, UNyana woMntu unikelwa ezandleni zabantu; baya kumbulala; uya kuthi ebulewe, abuye avuke ngomhla wesithathu.

9:32b.MAR.009.032 Baye bengakuqondi oko kuthetha; baye besoyika nokumbuza.

9:33b.MAR.009.033 Weza kufika eKapernahum. Akuba esekhaya, wayebabuza esithi, Nibe nicamanga ntoni na phakathi kwenu endleleni?

9:34b.MAR.009.034 Bahlala ke bathi tu; kuba endleleni babephikisene ngokuthi, Ngubani na omkhulu kunabanye?

9:35b.MAR.009.035 Akuba ehleli phantsi, wababiza abalishumi elinababini, wathi kubo, Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke.

9:36b.MAR.009.036 Uthabathe umntwana, wammisa phakathi kwabo; emwolile, wathi kubo,

9:37b.MAR.009.037 Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo.

9:38b.MAR.009.038 Ke kaloku uYohane wamphendula, esithi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina.

9:39b.MAR.009.039 Wathi ke uYesu, Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze ahle abe nako ukuthetha kakubi ngam.

9:40b.MAR.009.040 Kuba ongachaseneyo nathi, ungecala lethu.

9:41b.MAR.009.041 Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu, inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe.

9:42b.MAR.009.042 Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle.

9:43b.MAR.009.043 Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,

9:44b.MAR.009.044 apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

9:45b.MAR.009.045 Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,

9:46b.MAR.009.046 apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

9:47b.MAR.009.047 Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo,

9:48b.MAR.009.048 apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

9:49b.MAR.009.049 Kuba bonke baya kugalelwa ityuwa ngomlilo, athi onke amadini agalelwe ityuwa ngetyuwa.

9:50b.MAR.009.050 Ityuwa ilungile yona; ke ukuba ithe ityuwa ayaba nabutyuwa, noyivakalisa ngantoni na? Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.

10

10:1b.MAR.010.001 Esukile apho, uze kungena emideni yakwaYuda, ecanda kweliphesheya kweYordan. Kubuya kuhlanganiselane izihlwele kuye; ubesithi ke, njengoko ebeqhele ngako, abuye azifundise.

10:2b.MAR.010.002 Bafika abaFarisi, bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo; batsho bemlinga.

10:3b.MAR.010.003 Waphendula ke wathi kubo, UMoses waniwisela mthetho mni na?

10:4b.MAR.010.004 Bathi bona, UMoses wakuvumela ukubhala incwadi yokwahlukana, nokumala.

10:5b.MAR.010.005 Waphendula uYesu wathi kubo, Ngokuba lukhuni kwentliziyo yenu, wanibhalela loo mthetho;

10:6b.MAR.010.006 kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa, uThixo wabenza bayindoda nenkazana.

10:7b.MAR.010.007 Ngenxa yoko umntu uyakushiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe;

10:8b.MAR.010.008 baze abo babini babe nyama-nye. Ngako oko, abasebabini, banyama-nye.

10:9b.MAR.010.009 Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.

10:10b.MAR.010.010 Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza ngayo loo nto.

10:11b.MAR.010.011 Athi kubo, Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza kulowa.

10:12b.MAR.010.012 Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.

10:13b.MAR.010.013 Baye bezisa abantwana kuye ukuze abachukumise; basuka abafundi babakhalimela abo babazisayo.

10:14b.MAR.010.014 Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wacaphuka, wathi kubo, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli: ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.

10:15b.MAR.010.015 Inene ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akayi kukha angene kubo.

10:16b.MAR.010.016 Waza wabawola, wazibeka izandla phezu kwabo, wamana ebasikelela.

10:17b.MAR.010.017 Akubon’ ukuba uyaphuma, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?

10:18b.MAR.010.018 Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela-nguThixo.

10:19b.MAR.010.019 Uyayazi imithetho: Musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqinela ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko.

10:20b.MAR.010.020 Uphendule ke yena wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam.

10:21b.MAR.010.021 Uthe ke uYesu, ondele kuye, wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza ke undilandele, uwuthwele umnqamlezo.

10:22b.MAR.010.022 Wathi ke khunubembe ngelo zwi, wemka ebuhlungu; kuba ebenemfuyo eninzi.

10:23b.MAR.010.023 UYesu esingasingile, wathi kubafundi bakhe, Hayi, ukuba ngenkankulu ukuya kungena kwabo banobutyebi ebukumkanini bukaThixo!

10:24b.MAR.010.024 Ke bathi qhiphu umbilini abafundi ngamazwi akhe. Aphinde ke uYesu, aphendule athi kubo, Bantwana, hayi, ukuba ngenkankulu ukuthi abo bakholose ngobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo!

10:25b.MAR.010.025 Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.

10:26b.MAR.010.026 Baye bekhwankqiswa ke ngokuncamisileyo, besitshono ukuthi, Ngubani na ongasindiswayo?

10:27b.MAR.010.027 Ondele ke kubo uYesu, uthi, Kubantu akunakwenzeka; kuye yena uThixo akunakuba kungenzeki; kuba zonke izinto zinako ukwenzeka kuye uThixo.

10:28b.MAR.010.028 Waqala uPetros ukuthi kuye, Uyabona, thina sishiye iinto zonke, sakulandela.

10:29b.MAR.010.029 Waphendula uYesu wathi, Inene ndithi kuni, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi,

10:30b.MAR.010.030 ongayi kuthi amkeliswe kalikhulu: ngoku ngeli xesha, izindlu, nabazalwana, noodade, noonina, nabantwana, namasimi, ndawonye neentshutshiso; nakwelizayo iphakade, ubomi obungunaphakade.

10:31b.MAR.010.031 Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.

10:32b.MAR.010.032 Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eYerusalem; waye uYesu ehamba phambi kwabo; baye bethe qhiphu umbilini, balandela besoyika. Wabuya wabathabatha abalishumi elinababini waqala ukubaxelela izinto eziza kumhlela, esithi,

10:33b.MAR.010.033 Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem; waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubabingeleli abakhulu, nakubabhali; baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga.

10:34b.MAR.010.034 Ziya kudlala ngaye, zimtyakatye, zimtshicele, zimbulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.

10:35b.MAR.010.035 Kuthi kuze kuye uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, besithi, Mfundisi, sithanda ukuba usenzele into esothi siyicele.

10:36b.MAR.010.036 Wathi ke yena kubo, Nithanda ukuba ndinenzele ntoni na?

10:37b.MAR.010.037 Bathi ke bona kuye, Siphe ukuhlala, omnye ngasekunene kwakho, nomnye ngasekhohlo kwakho, ebuqaqawulini bakho.

10:38b.MAR.010.038 Wathi ke uYesu kubo, Aniyazi into eniyicelayo: ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi ke bona kuye, Sinako.

10:39b.MAR.010.039 Wathi ke uYesu kubo, Okunene indebe endiyiselayo mna, niya kuyisela; nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna, niya kubhaptizwa kwangalo;

10:40b.MAR.010.040 kodwa kona ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam, asikwam ukupha ngako, ngaphandle kokupha abo kulungiselwe bona.

10:41b.MAR.010.041 Bevile abalishumi, baqala ukubacaphukela ooYakobi noYohane.

10:42b.MAR.010.042 Ke kaloku, uYesu ebabizele kuye, uthi kubo, Niyazi ukuba abo kuthiwa balawula iintlanga, bayazigagamela; nabo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo.

10:43b.MAR.010.043 Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba efuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;

10:44b.MAR.010.044 nosukuba efuna ukuba ngowokuqala, makabe ngumkhonzi wabo bonke;

10:45b.MAR.010.045 kuba noNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

10:46b.MAR.010.046 Baza kufika eYeriko. Ekuphumeni kwakhe eYeriko apho, nabafundi bakhe nendimbane elingeneyo, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, waye ehleli ngasendleleni engqiba.

10:47b.MAR.010.047 Wathi akuva ukuba nguYesu waseNazarete, waqala ukudanduluka wathi, Yesu nyana kaDavide, ndenzele inceba.

10:48b.MAR.010.048 Baye abaninzi bemkhalimela ukuba athi tu; kwaba kokukhona ke wadandulukayo ngakumbi, esithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba.

10:49b.MAR.010.049 Wema uYesu wathi, Makabizwe. Bayibiza ke imfama, besithi kuyo, Yomelela, suk’ ume; uyakubiza.

10:50b.MAR.010.050 Ithe ke yona, ilahle ingubo yayo, yesuka yeza kuYesu.

10:51b.MAR.010.051 Aphendule athi kuyo uYesu, Uthanda ukuba ndikwenzele ntoni na? Yathi ke imfama kuye, Rabhoni, ndithanda ukuba ndibone.

10:52b.MAR.010.052 Wathi ke uYesu kuyo, Hamba uhambe; ukholo lwakho lukusindisile. Yabona kwaoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

11

11:1b.MAR.011.001 Ke kaloku, xa basondelayo eYerusalem, eBhetefage naseBhetani, besingisa eNtabeni yemiNquma, ususa babe babini kubafundi bakhe,

11:2b.MAR.011.002 athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi ningena kuwo, nibe senifumana ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.

11:3b.MAR.011.003 Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? nothi, Liyafuneka eNkosini; wothi kwaoko ke alithumele apha.

11:4b.MAR.011.004 Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; balikhulula.

11:5b.MAR.011.005 Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole?

11:6b.MAR.011.006 Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babayeka.

11:7b.MAR.011.007 Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwalo.

11:8b.MAR.011.008 Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni.

11:9b.MAR.011.009 Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; makabongwe lo uzayo egameni leNkosi.

11:10b.MAR.011.010 Mabubongwe ubukumkani bobawo wethu uDavide, obo buzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!

11:11b.MAR.011.011 Uthe ke uYesu wangena eYerusalem nasetempileni; ezisingasingile izinto zonke, wathi, kuba bekusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabalishumi elinababini.

11:12b.MAR.011.012 Uthe ngengomso, bakubon’ ukuba baphumile eBhetani, walamba.

11:13b.MAR.011.013 Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo; akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingelilo ixesha lamakhiwane.

11:14b.MAR.011.014 Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Baye besiva ke abafundi bakhe.

11:15b.MAR.011.015 Bafika eYerusalem. Waza uYesu, eye kungena etempileni, waqala wabakhupha ababethengisa nababethenga etempileni; wathi neetafile zabanani bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa.

11:16b.MAR.011.016 Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya.

11:17b.MAR.011.017 Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange.

11:18b.MAR.011.018 Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangathini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe.

11:19b.MAR.011.019 Uthe ke kwakuhlwa waphuma, waya ngaphandle komzi.

11:20b.MAR.011.020 Bathi bedlula kusasa, bawubona umkhiwane lowo womile, uthabathele kwasezingcanjini.

11:21b.MAR.011.021 Ekhumbule uPetros, uthi kuye, Rabhi, khangela umkhiwane obuwuqalekisile womile.

11:22b.MAR.011.022 Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo.

11:23b.MAR.011.023 Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha.

11:24b.MAR.011.024 Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo.

11:25b.MAR.011.025 Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.

11:26b.MAR.011.026 Ke, ukuba anixoleli nina, naye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu.

11:27b.MAR.011.027 Babuya beza eYerusalem; kuthi, akubon’ ukuba uyahamba etempileni, kuze kuye ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu;

11:28b.MAR.011.028 bathi kuye, Uzenza ezi zinto ngagunya lini na? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya lokuze ezi zinto uzenze?

11:29b.MAR.011.029 Waphendula ke uYesu, wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

11:30b.MAR.011.030 Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? Ndiphenduleni.

11:31b.MAR.011.031 Baye becamanga phakathi kwabo, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?

11:32b.MAR.011.032 Kodwa ukuba sithe, Lwaluphuma ebantwini—babesoyika abantu; kuba bonke babebambe ukuthi uYohane ubengumprofeti inene.

11:33b.MAR.011.033 Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Aphendule uYesu athi kubo, Nam andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

12

12:1b.MAR.012.001 Waqala ukuthi kubo ngemizekeliso, Umntu watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye.

12:2b.MAR.012.002 Wathi ngelona xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso.

12:3b.MAR.012.003 Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha.

12:4b.MAR.012.004 Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula bemhlazisile.

12:5b.MAR.012.005 Wabuya wathuma omnye; lowo bambulala. Wathuma nabanye babaninzi, inxenye beyityabula, inxenye beyibulala.

12:6b.MAR.012.006 Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.

12:7b.MAR.012.007 Ke bona abo balimi bathi phakathi kwabo, Yindlalifa lo; yizani simbulale, ilifa libe lelethu.

12:8b.MAR.012.008 Bamthabatha ke, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya.

12:9b.MAR.012.009 Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso.

12:10b.MAR.012.010 Anisilesanga na esi sibhalo sithi, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo;

12:11b.MAR.012.011 Kwavela eNkosini oku, Kungummangaliso emehlweni ethu?

12:12b.MAR.012.012 Baya befuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.

12:13b.MAR.012.013 Bathi bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha.

12:14b.MAR.012.014 Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo uyifundisa ngenene. Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, kusini na? Sinikele, singanikeli, kusini na?

12:15b.MAR.012.015 Ke kaloku yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo, ndiyibone.

12:16b.MAR.012.016 Bayizisa ke. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo?

12:17b.MAR.012.017 Bathi ke kuye, NgokaKesare. Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Bamangaliswa nguye.

12:18b.MAR.012.018 Kweza kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; babuza kuye besithi,

12:19b.MAR.012.019 Mfundisi, uMoses wasibhalela, wathi, Ukuba umzalwana kathile uthe wafa, washiya umfazi, akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.

12:20b.MAR.012.020 Ke kaloku bekukho abazalwana abasixhenxe. Wathi owokuqala wazeka umfazi; waza akufa akashiya mbewu.

12:21b.MAR.012.021 Uthe owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu. Wenjenjalo nowesithathu.

12:22b.MAR.012.022 Bamzeka ke bosixhenxe; abashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi.

12:23b.MAR.012.023 Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba babenaye bosixhenxe engumfazi.

12:24b.MAR.012.024 Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yale ndawo yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo?

12:25b.MAR.012.025 Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa ezisemazulwini.

12:26b.MAR.012.026 Ngokusingisele kwabafileyo ke, ukuba bayavuka, anilesanga na encwadini kaMoses, endaweni ethetha ngetyholo, okokuba uThixo wathetha kuye esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi?

12:27b.MAR.012.027 AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu.

12:28b.MAR.012.028 Kwafika omnye wakubabhali; wabeva bebuzana; waqonda ukuba ubaphendule kakuhle. Wambuza esithi, Owona mthetho uphambili kuyo yonke nguwuphi na?

12:29b.MAR.012.029 UYesu wamphendula ke esithi, Owona ungaphambili kuyo yonke imithetho ngulo: Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi inye;

12:30b.MAR.012.030 uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, na ngomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo ongaphambili umthetho.

12:31b.MAR.012.031 Nowesibini ufana nawo; nangu: Uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunale.

12:32b.MAR.012.032 Wathi umbhali kuye, Ngxatsho ke, Mfundisi, uthethe inyaniso; ngokuba mnye uThixo, akukho wumbi ngaphandle kwakhe;

12:33b.MAR.012.033 nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshiswayo kuphele, nemibingelelo.

12:34b.MAR.012.034 UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye, Akukude wena ebukumkanini bukaThixo. Akwaba sabakho mntu ubenobuganga bakumbuza nto.

12:35b.MAR.012.035 Waphendula uYesu, wathi, efundisa etempileni, Batsho ngani na ababhali ukuthi, UKristu ungunyana kaDavide?

12:36b.MAR.012.036 Kuba uDavide ngokwakhe wathi ngoMoya oyiNgcwele, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.

12:37b.MAR.012.037 UDavide ngoko ngokwakhe uthi, UyiNkosi. Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe? Lwaye ke uninzi lwabantu lumva kamnandi.

12:38b.MAR.012.038 Wayesithi kubo, ekufundiseni kwakhe, Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngeengubo ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho,

12:39b.MAR.012.039 nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni;

12:40b.MAR.012.040 abazidla bazigqibe izindlu zabahlolokazi, baze benyhwalaza bathandaze uzungu. Aba baya kwamkela ugwebo olugqithisileyo.

12:41b.MAR.012.041 Waye uYesu ehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela ukuba sithini na isihlwele ukuphosa imali yobhedu emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu.

12:42b.MAR.012.042 Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante.

12:43b.MAR.012.043 Ebabizele kuye abafundi bakhe, uthi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali;

12:44b.MAR.012.044 kuba bonke abo baphose bethabatha kwikhupha labo; ke yena ekusweleni kwakhe uphose konke abenako, impilo yakhe iphela.

13

13:1b.MAR.013.001 Kwakubon’ ukuba uyaphuma etempileni, uthi omnye umfundi wakhe kuye, Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?

13:2b.MAR.013.002 Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.

13:3b.MAR.013.003 Baye, akubon’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma malungana netempile, bembuza ngasese ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi,

13:4b.MAR.013.004 Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziza kupheliswa.

13:5b.MAR.013.005 Wabaphendula ke uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa bani;

13:6b.MAR.013.006 kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye uKristu, balahlekise into eninzi.

13:7b.MAR.013.007 Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kuba ezo zinto zimelwe kukuhla, ukanti kona ukuphela akukabikho;

13:8b.MAR.013.008 kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko; ziingqaleko ke zenimba ezo.

13:9b.MAR.013.009 Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo.

13:10b.MAR.013.010 Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.

13:11b.MAR.013.011 Xa sukuba ke benirhola beya kuninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga nto. Into enithe nayinikwa ngelo xa, thethani yona; kuba asinini enithethayo, nguMoya oyiNgcwele.

13:12b.MAR.013.012 Ke kaloku, umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana, bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise;

13:13b.MAR.013.013 nithiywe ngabantu bonke, ngenxa yegama lam. Ke onyamezelayo kude kube sekupheleni, lowo wosindiswa.

13:14b.MAR.013.014 Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele kuba khona (olesayo makaqiqe), mabathi ngelo xa abo bakwaYuda basabele ezintabeni.

13:15b.MAR.013.015 Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe.

13:16b.MAR.013.016 Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe.

13:17b.MAR.013.017 Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!

13:18b.MAR.013.018 Thandazani ke, ukuze intsabo yenu ingabi khona ebusika.

13:19b.MAR.013.019 Kuba yona loo mihla iya kuba yimbandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwakalokunje; engasayi kubuya ibekho.

13:20b.MAR.013.020 Kanjalo ukuba iNkosi ibingayinqamlelanga loo mihla, bekungayi kubakho mntu usindayo; koko ithe ngenxa yabanyulwa ebanyulileyo, yayinqamlela imihla leyo.

13:21b.MAR.013.021 Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukukholwa nguye;

13:22b.MAR.013.022 kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka.

13:23b.MAR.013.023 Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili.

13:24b.MAR.013.024 Ngaloo mihla, emveni kwayo loo mbandezelo, liya kusuka ilanga lenziwe mnyama, ithi nenyanga ingabukhuphi ubumhlophe bayo;

13:25b.MAR.013.025 zithi neenkwenkwezi zezulu zivuthuluke; athi mamandla asemazulwini azanyazanyiswe.

13:26b.MAR.013.026 Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli.

13:27b.MAR.013.027 Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu.

13:28b.MAR.013.028 Wufundeni ke kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo.

13:29b.MAR.013.029 Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona ezo zinto zisihla, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.

13:30b.MAR.013.030 Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho.

13:31b.MAR.013.031 Liya kudlula izulu nehlabathi, ke wona amazwi am akasayi kudlula.

13:32b.MAR.013.032 Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise.

13:33b.MAR.013.033 Lumkani, musani ukulala, thandazani. Kuba anilazi ukuba linini na ixesha elo;

13:34b.MAR.013.034 njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde.

13:35b.MAR.013.035 Lindani ngoko, ngokuba ningakwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa;

13:36b.MAR.013.036 hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele.

13:37b.MAR.013.037 Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.

14

14:1b.MAR.014.001 Ke kaloku bekuza kubakho ipasika, izonka ezingenagwele, emveni kweentsuku ezimbini; baye ke ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbamba ngenkohliso, bambulale.

14:2b.MAR.014.002 Babesithi ke, Makungabi khona ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge sabantu.

14:3b.MAR.014.003 Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon’ ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza ihlala elo lelabhastile, wamgalela ngawo entloko.

14:4b.MAR.014.004 Kwaye ke kukho abathile abacaphukayo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo?

14:5b.MAR.014.005 Kuba la mafutha bekungathengiswayo ngawo ngenani elingaphezu kweedenariyo ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu; basuka bamfuthela.

14:6b.MAR.014.006 Uthe ke uYesu, Myekeni; nimaphulelani na? Usebenze umsebenzi omhle kum;

14:7b.MAR.014.007 kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam.

14:8b.MAR.014.008 Yena ukwenzile abenako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam.

14:9b.MAR.014.009 Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.

14:10b.MAR.014.010 UYuda Sikariyoti, omnye kwabeshumi elinababini, wesuka waya kubabingeleli abakhulu, ukuba amnikele kubo.

14:11b.MAR.014.011 Bathi ke bona bakuva bavuya; bambeka ngedinga lokumnika imali. Wayefuna ukuba angathini na ukumnikela ngexesha elimlungeleyo.

14:12b.MAR.014.012 Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, xa bekubingelelwa imvana yepasika, bathi kuye abafundi bakhe, Unga singaya kulungisa phi na, ukuze uyidle ipasika?

14:13b.MAR.014.013 Ususa babini kubafundi bakhe, athi kubo, Hambani niye kuwo umzi; nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni.

14:14b.MAR.014.014 Apho athe wangena khona, nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi, Iphi na indlu yabahambi, apho ndingayidlela khona ipasika nabafundi bam?

14:15b.MAR.014.015 Yena wonibonisa igumbi eliphezulu, elikhulu, landlelwe lalungiswa; silungiseleleni apho.

14:16b.MAR.014.016 Baphuma abafundi bakhe abo, baya kungena kuwo umzi, bafumana kunjengoko wayebaxelele, bayilungisa ipasika.

14:17b.MAR.014.017 Uthi kwakuhlwa, eze nabalishumi elinababini.

14:18b.MAR.014.018 Bakubon’ ukuba bahleli, bayadla, wathi uYesu, Inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha, lowo ke udla nam.

14:19b.MAR.014.019 Baqala ke ukuba buhlungu, nokuthi kuye ngabanye, Ingaba ndim, yini na? Nomnye wathi, Ingaba ndim, yini na?

14:20b.MAR.014.020 Uphendule ke wathi kubo, Ngomnye kwabeshumi elinababini, lowo ke uthi nkxu nam esityeni.

14:21b.MAR.014.021 UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.

14:22b.MAR.014.022 Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wathabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.

14:23b.MAR.014.023 Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke.

14:24b.MAR.014.024 Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi.

14:25b.MAR.014.025 Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo.

14:26b.MAR.014.026 Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.

14:27b.MAR.014.027 Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka kum ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu.

14:28b.MAR.014.028 Ke emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.

14:29b.MAR.014.029 Wathi ke uPetros kuye, Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye.

14:30b.MAR.014.030 Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.

14:31b.MAR.014.031 Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke.

14:32b.MAR.014.032 Bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane. Athi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndithandaze;

14:33b.MAR.014.033 athabathe naye uPetros noYakobi noYohane. Waqala ukuqhiphuka umbilini, nokudandatheka kakhulu.

14:34b.MAR.014.034 Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde.

14:35b.MAR.014.035 Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo.

14:36b.MAR.014.036 Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe.

14:37b.MAR.014.037 Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda noko lilinye na ilixa?

14:38b.MAR.014.038 Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.

14:39b.MAR.014.039 Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi.

14:40b.MAR.014.040 Uthe akubuya, wabafumana bebuye balala; kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo; baye bengazi into abangamphendula yona.

14:41b.MAR.014.041 Afike okwesithathu, athi kubo, Lalani ngoku niphumle; kwanele; lifikile ilixa; yabonani, uNyana woMntu uyanikelwa ezandleni zaboni.

14:42b.MAR.014.042 Vukani sihambe; yabonani, lowo undinikelayo usondele.

14:43b.MAR.014.043 Kwaoko, esathetha, uthi qatha uYuda, owayengoweshumi elinababini, enendimbane enkulu, inamakrele neentonga, isuka kubo ababingeleli abakhulu, nakubabhali, nakuwo amadoda amakhulu.

14:44b.MAR.014.044 Ke kaloku, lowo umnikelayo waye ebanike umqondiso, esithi, Lowo ndithe ndamanga, nguye; mbambeni, nimrhole nimnqabisile.

14:45b.MAR.014.045 Efikile, uye kuye kwaoko, athi, Rabhi, Rabhi; wamanga.

14:46b.MAR.014.046 Bamsa ke isandla, bambamba.

14:47b.MAR.014.047 Uthe ke omnye wabo babemi khona, warhola ikrele, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe.

14:48b.MAR.014.048 Waphendula uYesu wathi kubo, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, nanga niphumele isihange?

14:49b.MAR.014.049 Bendikuni imihla ngemihla etempileni ndifundisa, anandibamba; kodwa kunje, ukuze zizaliseke izibhalo.

14:50b.MAR.014.050 Bamshiya bonke, babaleka.

14:51b.MAR.014.051 Wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ilinen entle emzimbeni; asuka ayibamba ke amadodana.

14:52b.MAR.014.052 Ithe yayilahla ilinen entle leyo, yabaleka kubo ize.

14:53b.MAR.014.053 Bamrholela uYesu kumbingeleli omkhulu, babuthelana kuye bonke ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nababhali.

14:54b.MAR.014.054 Waza uPetros wamlandela, ebekele kude, wada waya ngaphakathi entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu; waye ehleli phantsi ndawonye namadindala, esotha umlilo.

14:55b.MAR.014.055 Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; bengabufumani.

14:56b.MAR.014.056 Kuba babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye, baye ubungqina babo bungayelelani.

14:57b.MAR.014.057 Basuka abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi,

14:58b.MAR.014.058 Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziweyo ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla.

14:59b.MAR.014.059 Baye bungayelelani kwangokunjalo nobabo ubungqina.

14:60b.MAR.014.060 Wesuka wema phakathi umbingeleli omkhulu, wambuza uYesu, esithi, Akuphenduli nento le na? bangqina ntoni na aba ngawe?

14:61b.MAR.014.061 Wahlala ke yena wathi tu, akaphendula nento. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu, uNyana waLowo ungowokubongwa?

14:62b.MAR.014.062 Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza namafu ezulu.

14:63b.MAR.014.063 Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina?

14:64b.MAR.014.064 Nikuvile ukunyelisa; kunjani kuni nina? Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe.

14:65b.MAR.014.065 Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; aye amadindala emtywakraza.

14:66b.MAR.014.066 Kuthi ke, akubon’ ukuba uPetros usentendelezweni ngezantsi, kuze omnye umkhonzazana wombingeleli omkhulu,

14:67b.MAR.014.067 ambone uPetros esotha, ondele kuye, athi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete.

14:68b.MAR.014.068 Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya phandle kwengaphambili intendelezo; yalila ke inkuku.

14:69b.MAR.014.069 Umkhonzazana ubuye wambona, waqala ukuthi kwabo babemi khona, Lo ngowakubo.

14:70b.MAR.014.070 Waphinda ke wakhanyela. Kuthe, kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona, bathi kuPetros. Inyaniso, ungowakubo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo.

14:71b.MAR.014.071 Waqala ke ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu nimthethayo.

14:72b.MAR.014.072 Yalila okwesibini inkuku. Walikhumbula ke uPetros ilizwi, abelithethile uYesu kuye, lokuthi, Ingekalili inkuku kabini, uya kundikhanyela kathathu. Wathi akucinga, walila.

15

15:1b.MAR.015.001 Bathi, kwaoko kwakusa, ababingeleli abakhulu benza ibhunga, ndawonye namadoda amakhulu, nababhali, nentlanganiso yamatyala iphelele; bambopha uYesu bemka naye, bamnikela kuPilato.

15:2b.MAR.015.002 UPilato wambuza esithi, Unguye na ukumkani wamaYuda? Waphendula ke yena wathi kuye, Nawe utsho.

15:3b.MAR.015.003 Baye bemmangalela ke ngeendawo ezininzi ababingeleli abakhulu.

15:4b.MAR.015.004 Wabuya ke uPilato wambuza, esithi, Akuphenduli nento na? Khangela ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqina ngawe.

15:5b.MAR.015.005 Noko ke uYesu akabanga saphendula nto yena, ngokokude amangaliswe uPilato.

15:6b.MAR.015.006 Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko ubeqhele ukubakhululela umbanjwa abe mnye, abasukuba bemcela.

15:7b.MAR.015.007 Kwaye kukho ke obekuthiwa nguBharabhas, ebotshwe ndawonye nabanye abenzi besaqunge, ababulalayo nokubulala esaqungeni apho.

15:8b.MAR.015.008 Sankqangaza isihlwele, saqala ukucela, ukuba enze ngoko abehlala esenza ngako kubo.

15:9b.MAR.015.009 Wabaphendula ke uPilato, esithi, Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaYuda na?

15:10b.MAR.015.010 Kuba ebesazi ukuba ababingeleli abakhulu abo bamnikele ngomona.

15:11b.MAR.015.011 Ke bona ababingeleli abakhulu bayixhokonxa indimbane, ukuba icele ukuba kanye abakhululele uBharabhas.

15:12b.MAR.015.012 Wabuya waphendula ke uPilato, wathi kubo, Ninga ndingamenzani na ngoko lowo nithi nguKumkani wamaYuda?

15:13b.MAR.015.013 Babuya ke bankqangaza bathi, Mbethelele emnqamlezweni!

15:14b.MAR.015.014 Wathi ke uPilato kubo, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni!

15:15b.MAR.015.015 Ke kaloku uPilato, ngokunga angasithomalalisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas. Emtyakatyile ke uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

15:16b.MAR.015.016 Athi amasoldati amrholele ngaphakathi kwentendelezo, oko kukuthi endlwini yerhuluneli; alibizele ndawonye ibutho lawo liphela;

15:17b.MAR.015.017 amambathise ngebomvu; aluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso,

15:18b.MAR.015.018 aqale ukumbulisa, athi, Aa! Kumkani wamaYuda!

15:19b.MAR.015.019 Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye.

15:20b.MAR.015.020 Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrholela phandle, ukuze ambethelele emnqamlezweni.

15:21b.MAR.015.021 Anyanzela umhambi othile, uSimon waseKirene, evela ephandleni, lowo nguyise ka-Alesandire noRufo, ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.

15:22b.MAR.015.022 Amzisa endaweni yeGologota, oko kukuthi ngentetho evakalayo, yindawo yokakayi.

15:23b.MAR.015.023 Ayemnika iwayini enemore, ukuba ayisele; kodwa akayamkelanga.

15:24b.MAR.015.024 Athi akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso ngazo, ukuze uthile athabathe ethile.

15:25b.MAR.015.025 Ke kaloku, laye ililixa lesithathu, abambethelela ngalo emnqamlezweni.

15:26b.MAR.015.026 Waye umbhalo wetyala lakhe ubhalwe ngaphezulu, kwathiwa, uKumkani wamaYuda.

15:27b.MAR.015.027 Kwaye kubethelelwe naye eminqamlezweni izihange zizibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo kwakhe.

15:28b.MAR.015.028 Sazaliseka ke eso sibhalo sithi, Wabalelwa kwabachasene nomthetho.

15:29b.MAR.015.029 Baye abadlulayo bemnyelisa, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Uha! Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu,

15:30b.MAR.015.030 zisindise, uhle emnqamlezweni.

15:31b.MAR.015.031 Ngokukwanjalo nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye phakathi kwabo, benababhali, babesithi, Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa.

15:32b.MAR.015.032 UKristu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe. Baye nabo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye bemngcikiva.

15:33b.MAR.015.033 Ke kaloku lakuba lilixa lesithandathu, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwalilixa lesithoba.

15:34b.MAR.015.034 Ngalo ilixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi! Eloyi! Lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam! Thixo wam! undishiyeleni na?

15:35b.MAR.015.035 Inxenye yababemi khona yakuva yathi, Yabonani, ubiza uEliya.

15:36b.MAR.015.036 Wagidima ke omnye, wazalisa imfunxa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza, esithi, Khanenze kuhle, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.

15:37b.MAR.015.037 Wathi ke uYesu, ekhuphe izwi elikhulu, waphuma umphefumlo.

15:38b.MAR.015.038 Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi.

15:39b.MAR.015.039 Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo.

15:40b.MAR.015.040 Kwaye ke kukho nabafazi, bekhangele bemgama; kubo apho wayenguMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi omnci nokaYose, kwanoSalome;

15:41b.MAR.015.041 ababesithi, oko ebeba kwelaseGalili, bamlandele, bamlungiselele; nabanye abaninzi, ababenyuke naye ukuya eYerusalem.

15:42b.MAR.015.042 Kuthe sekuhlwile, ekubeni ibiyimini yokulungiselela, oko kukuthi ngumhla ophambi kwesabatha,

15:43b.MAR.015.043 kweza uYosefu, owaseArimati, umphakathi obekekileyo, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; waya kungena ngobuganga kuPilato, wacela umzimba kaYesu.

15:44b.MAR.015.044 Wamangaliswa ke uPilato kukuba selefile. Ebizele kuye umthetheli-khulu, wambuza ukuba uselenexesha na efile.

15:45b.MAR.015.045 Wathi akuqonda kumthetheli-khulu lowo, wamnika uYosefu umzimba.

15:46b.MAR.015.046 Yena, ethenge ilinen entle, wamthula; wamsongela kuyo ilinen entle; wamlalisa engcwabeni elalixholwe eweni; waqengqela ilitye emnyango wengcwaba.

15:47b.MAR.015.047 Baye ke ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYose, bebona apho wayebekwe khona.

16

16:1b.MAR.016.001 Yakubon’ ukuba idlule isabatha, ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi, noSalome, bathenga ubulawu, ukuba beze bamthambise.

16:2b.MAR.016.002 Bathi kwakusasa kakhulu, ngolokuqala usuku lweveki, beza engcwabeni, liphumile ilanga.

16:3b.MAR.016.003 Baye bethetha bodwa, besithi, Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba?

16:4b.MAR.016.004 Bathi bakukhangela, babona ukuba liqengqiwe lesuka ilitye; kuba belilikhulu kakhulu.

16:5b.MAR.016.005 Bakungena engcwabeni, babona indodana ihleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende, emhlophe; baqhiphuka umbilini.

16:6b.MAR.016.006 Ithi ke yona kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile, akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo.

16:7b.MAR.016.007 Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni.

16:8b.MAR.016.008 Baphuma ke kamsinya, babaleka engcwabeni. Baye ke bephethwe lungcangcazelo nokuthi nqa; abathetha nto nakubani, kuba babesoyika.

16:9b.MAR.016.009 Ke kaloku wathi uYesu, evuke ekufeni kusasa ngolokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala, awayekhuphe kuye iidemon zasixhenxe.

16:10b.MAR.016.010 Waya yena wabikela ababenaye, bakubon’ ukuba bakhedamile, bayalila.

16:11b.MAR.016.011 Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, abakholwa.

16:12b.MAR.016.012 Emveni koko ke, wabonakaliswa ngesinye isimo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni.

16:13b.MAR.016.013 Nabo baya babikela abanye; abakholwa nangabo.

16:14b.MAR.016.014 Kamva wabonakalaliswa kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo; ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.

16:15b.MAR.016.015 Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo.

16:16b.MAR.016.016 Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa.

16:17b.MAR.016.017 Imiqondiso ke eya kulandelana nabo bakholiweyo nantsi: egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha;

16:18b.MAR.016.018 baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayikukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.

16:19b.MAR.016.019 Yathi okunene ngoko yona iNkosi, emveni kokuthetha kubo, yanyuselwa emazulwini, yahlala ngasekunene kukaThixo.

16:20b.MAR.016.020 Ke bona baphuma, bavakalisa ezindaweni zonke, iNkosi isebenza nabo, iliqinisela ilizwi ngayo imiqondiso ephelekana nalo. Amen.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Mark (Xhosa). Mark (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3EE-0