Zechariah (Xhosa)
1
1:1b.ZEC.001.001 Ngenyanga yesibhozo, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti, lisithi:
1:2b.ZEC.001.002 UYehova waye enoburhalarhume obukhulu kooyihlo.
1:3b.ZEC.001.003 Yithi ke kubo, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Buyelani kum, utsho uYehova wemikhosi; ndobuyela kuni, utsho uYehova wemikhosi.
1:4b.ZEC.001.004 Musani ukuba njengooyihlo, ababebizwa bona ngabaprofeti bangaphambili, besithi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Khanibuye ngoku ezindleleni zenu ezimbi nasezintlondini zenu ezimbi; ke abaphulaphula, abandibazela ndlebe; utsho uYehova.
1:5b.ZEC.001.005 Ooyihlo baphi na? nabaprofeti baya kudla ubomi ngonaphakade na?
1:6b.ZEC.001.006 Kodwa amazwi am, nemimiselo yam, endayimisela abakhonzi bam abaprofeti, ayibafumananga na ooyihlo? ukuze babuye bathi, Njengoko wakunkqangiyelayo uYehova ukuba akwenze kuthi, ngokweendlela zethu nangokweentlondi zethu, wenjenjalo kuthi.
1:7b.ZEC.001.007 Ngosuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yeshumi elinanye, inyanga enguShebhati, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti, lisithi,
1:8b.ZEC.001.008 Ndibone ebusuku, nanko umntu ekhwele ehasheni elibomvu; waye ke emi phakathi kwemimirtile ebisenyobeni, ngasemva kwakhe ingamahashe, abomvu, nangwevu, namhlophe.
1:9b.ZEC.001.009 Ndathi, Ngoobani na aba, nkosi yam? Sathi kum isithunywa ebesithetha nam, Ndokubonisa ukuba ngoobani na aba.
1:10b.ZEC.001.010 Waphendula umntu obemi phakathi kwemimirtile wathi, Aba ngabathunywe nguYehova, ukuba balihambahambe ihlabathi.
1:11b.ZEC.001.011 Basiphendula isithunywa sikaYehova ebesimi phakathi kwemimirtile, bathi, Silihambahambile ihlabathi, nalo lonke ihlabathi lihleli lizolile.
1:12b.ZEC.001.012 Saphendula ke isithunywa sikaYehova, sathi, Yehova wemikhosi, koba nini na ungasikwa yimfesane wena, ngenxa yeYerusalem nemizi yakwaYuda, owayibhavumelayo le minyaka imashumi asixhenxe?
1:13b.ZEC.001.013 UYehova wasiphendula isithunywa esibe sithetha nam, ngamazwi alungileyo, ngamazwi athuthuzelayo.
1:14b.ZEC.001.014 Sathi kum isithunywa esibe sithetha nam, Memeza uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeYerusalem nangeZiyon.
1:15b.ZEC.001.015 Ndinoburhalarhume obukhulu kuzo iintlanga ezihleli ngokonwaba; ngokokuba bendinoburhalarhume mna umzuzwana, ke zona zongezelelela ububi.
1:16b.ZEC.001.016 Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Ndiyibuyele iYerusalem ngemfesane; indlu yam iya kwakhelwa khona, utsho uYehova wemikhosi; ulutya lokulinganisa luya kolulwa phezu kweYerusalem.
1:17b.ZEC.001.017 Buya umemeze, uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Imizi yam isaya kuphalala okulungileyo; uYehova usaya kuyithuthuzela iZiyon, ayinyule iYerusalem.
1:18b.ZEC.001.018 Ndaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nanzo iimpondo, zine.
1:19b.ZEC.001.019 Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi? Sathi kum, Ezi ziimpondo ezichithachithe uYuda, uSirayeli, neYerusalem.
1:20b.ZEC.001.020 UYehova wandibonisa iingcibi zokukhanda, zine.
1:21b.ZEC.001.021 Ndathi, Aba baze kwenza ntoni na? Sathetha sathi, Ezi ziimpondo ezichithachithe uYuda, ngokokude kungabikho bani uphakamisa intloko yakhe: aba ke baze kuzothusa, baziwise phantsi iimpondo zeentlanga, eziphakamise uphondo ezweni lakwaYuda, ukuba zilichithachithe.
2
2:1b.ZEC.002.001 Ndaphakamisa amehlo am, ndakhangela, Nanko umntu ephethe ngesandla ulutya lokulinganisa.
2:2b.ZEC.002.002 Ndathi ke, Uya ngaphi na? Wathi kum, Ndiya kulinganisa iYerusalem, ndibone ukuba bungakanani na ububanzi bayo, bungakanani na ubude bayo.
2:3b.ZEC.002.003 Naso ke isithunywa esibe sithetha nam siphuma, kuphuma nesinye isithunywa, sisiya kusikhawulela.
2:4b.ZEC.002.004 Sathi kuso, Gidima, uthethe nalaa ndodana, uthi, IYerusalem iya kuhlala ngokwamaphandle, ngenxa yobuninzi babantu neenkomo eziphakathi kwayo.
2:5b.ZEC.002.005 Ndiya kuba ludonga lomlilo kuyo mna ngeenxa zonke, utsho uYehova; ndibe bubuqaqawuli phakathi kwayo.
2:6b.ZEC.002.006 Wenani! wenani! Sabani ezweni langasentla, utsho uYehova; ngokuba ndiniphangalalisa njengemimoya yomine yezulu; utsho uYehova.
2:7b.ZEC.002.007 Wa, Ziyon! Zisindise, wena uhleli nentombi enguBhabheli.
2:8b.ZEC.002.008 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Undithume ukuphuthuma uzuko ezintlangeni ezanibhunyulayo; ngokuba onichukumisayo, uchukumisa ukhozo lweliso lakhe.
2:9b.ZEC.002.009 Ngokuba, uyabona, ndiya kulingisa ngesandla sam kuzo, zibe ngamaxhoba kwababezikhonza; nazi ukuba uYehova wemikhosi undithumile.
2:10b.ZEC.002.010 Memelela uvuye, ntombi inguZiyon; ngokuba, uyabona, ndiyeza, ndihlale phakathi kwakho; utsho uYehova.
2:11b.ZEC.002.011 Kuya kuthelela kuYehova iintlanga ezininzi ngaloo mini, zibe ngabantu bam, ndihlale phakathi kwakho; wazi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuwe.
2:12b.ZEC.002.012 UYehova uya kumdla ilifa uYuda, isahlulo sakhe emhlabeni ongcwele, abuye ayinyule iYerusalem.
2:13b.ZEC.002.013 Mayithi tu yonke inyama phambi koYehova; ngokuba esukile ekhayeni lakhe elingcwele.
3
3:1b.ZEC.003.001 Wandibonisa uYoshuwa umbingeleli omkhulu, emi phambi kwesithunywa sikaYehova, uSathana emi ngasekunene kwakhe, ukuze amchase.
3:2b.ZEC.003.002 Wathi uYehova kuSathana, UYehova makakukhalimele, Sathana; akukhalimele uYehova oyinyulileyo iYerusalem; lo akasikhuni esirholwe emlilweni na?
3:3b.ZEC.003.003 UYoshuwa ke ebambethe iingubo ezingcolileyo; wema ke phambi kwesithunywa.
3:4b.ZEC.003.004 Saphendula sathetha nabemiyo phambi kwaso, sathi, Zisuseni iingubo ezingcolileyo kuye. Sathi ke kuye, Yabona, ndibususile ubugwenxa bakho kuwe, ndikwambese ngezinqabileyo.
3:5b.ZEC.003.005 Ndathi ke, Mabambeke unkontsho oluhlambulukileyo entloko. Bambeka ke unkontsho oluhlambulukileyo entlokweni yakhe, bamambesa ngeengubo; saye isithunywa sikaYehova simi.
3:6b.ZEC.003.006 Isithunywa sikaYehova saqononondisa kuYoshuwa, sathi,
3:7b.ZEC.003.007 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ukuba uthe wasigcina isigxina sam, woyilawula wena indlu yam, wozigcina neentendelezo zam, ndikunike ukuhamba phakathi kwaba bemiyo apha.
3:8b.ZEC.003.008 Khawuphulaphule ke Yoshuwa, mbingeleli mkhulu, wena nabalingane bakho abahlala phambi kwakho; ngokuba ngamadoda asisimanga. Ngokuba, uyabona, ndiya kuzisa umkhonzi wam onguHlumelo.
3:9b.ZEC.003.009 Ngokuba nalo ilitye endalibeka phambi koYoshuwa; lityeni linye kobakho amehlo asixhenxe; yabona, ndikrola ukrolo lwalo, utsho uYehova wemikhosi, ndisuse ubugwenxa beli lizwe ngamini-nye.
3:10b.ZEC.003.010 Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, niya kubizelana phantsi komdiliya naphantsi komkhiwane.
4
4:1b.ZEC.004.001 Sabuya isithunywa esibe sithetha nam, sandivusa njengomntu ovuswa ebuthongweni bakhe.
4:2b.ZEC.004.002 Sathi kum, Ubona ntoni na? Ndathi ke, Ndibona, nanko kukho isiphatho sesibane segolide sonke siphela, sineselwa laso phezu kwentloko yaso, sinezibane zaso ezisixhenxe phezu kwaso, zinamajelo asixhenxe ngasixhenxe ezibane eziphezu kwentloko yaso;
4:3b.ZEC.004.003 neminquma emibini kuso, omnye ungasekunene kweselwa, omnye ungasekhohlo kwalo.
4:4b.ZEC.004.004 Ndaphendula ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam?
4:5b.ZEC.004.005 Saphendula isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Akuzazi na ukuba ziyintoni na ezi zinto? Ndathi, Hayi, nkosi yam.
4:6b.ZEC.004.006 Saphendula sathi kum, Nali ilizwi likaYehova kuZerubhabheli, lisithi, Akungabukroti, akungamandla; kungoMoya wam; utsho uYehova wemikhosi.
4:7b.ZEC.004.007 Ungubani na wena, ntaba inkulu, phambi koZerubhabheli? Yiba sisithabazi; yena uya kulivelisa ilitye lochochoyi, kunkqangazwa kusithiwa, Ubabalo, ubabalo malube kulo.
4:8b.ZEC.004.008 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
4:9b.ZEC.004.009 Izandla zikaZerubhabheli ziyisekile le ndlu; izandla zakhe ziya kuyigqiba; wazi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuni.
4:10b.ZEC.004.010 Ngokuba ngubani na owoyidela imini yezinto ezincinane? Aya kuyibona ngovuyo ilothe yokulungelelanisa esandleni sikaZerubhabheli, kwawona osixhenxe amehlo kaYehova; ayawutyhutyha umhlaba wonke.
4:11b.ZEC.004.011 Ndaphendula ndathi kuso, Iyintoni na le minquma mibini, ngasekunene kwesiphatho sesibane nangasekhohlo kuso?
4:12b.ZEC.004.012 Ndaphendula okwesibini, ndathi kuso, Ziyintoni na ezi mbaxa zimbini zeminquma, zikufuphi nemiboko emibini yegolide, ethulula ioli ebugolide kuzo?
4:13b.ZEC.004.013 Sandiphendula, sathi, Akuzazi na ukuba ziyintoni na ezi zinto? Ndathi, Hayi, nkosi yam.
4:14b.ZEC.004.014 Sathi kum, Aba babini ngabeoli, abema ngakwiNkosi yehlabathi lonke.
5
5:1b.ZEC.005.001 Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nantso incwadi esongwayo, iphaphazela.
5:2b.ZEC.005.002 Sathi kum, Ubona ntoni na? Ndathi, Ndibona incwadi esongwayo iphaphazela; ubude bayo buziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo buziikubhite ezishumi-nye.
5:3b.ZEC.005.003 Sathi kum, Eso ke sisishwabulo esiphuma sihambe phezu kwelizwe lonke; ngokuba bonke abebayo baya kutshayelwa apha ngokokwayo; bonke abafungayo baya kutshayelwa ngaphaya ngokokwayo.
5:4b.ZEC.005.004 Ndisikhuphile, utsho uYehova wemikhosi; siya kungena endlwini yesela, nasendlwini yolifungayo ngobuxoki igama lam, silalise endlwini yakhe, siyigqibe nemithi yayo namatye ayo.
5:5b.ZEC.005.005 Saphuma isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Khawuwaphakamise amehlo akho, ukhangele ukuba iyintoni na leyo iphumayo.
5:6b.ZEC.005.006 Ndathi ke, Yintoni na? Sathi, Yiefa leya iphumayo. Sathi, Yimbonakalo yabo leya ezweni lonke.
5:7b.ZEC.005.007 Nanko, kuphakama isiciko selothe, kuhleli umfazi phakathi kwe-efa.
5:8b.ZEC.005.008 Sathi, NguNgendawo lowo; samphosa phakathi kwe-efa, saliphosa ilitye lelothe emlonyeni wayo.
5:9b.ZEC.005.009 Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela, nanko kuphuma abafazi ababini, umoya usemaphikweni abo; amaphiko abo abenjengamaphiko engwamza, bayithwala iefa phakathi komhlaba nezulu.
5:10b.ZEC.005.010 Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Bayisa phi na iefa abaya?
5:11b.ZEC.005.011 Sathi kum, Baya kumakhela indlu ezweni leShinare; ithi yakugqitywa, bambeke khona esizeni sakhe.
6
6:1b.ZEC.006.001 Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nanzo iinqwelo zokulwa zine, ziphuma phakathi kweentaba zombini; iintaba ke iziintaba zobhedu.
6:2b.ZEC.006.002 Enqwelweni yokuqala ibingamahashe abomvu; enqwelweni yesibini ibingamahashe amnyama;
6:3b.ZEC.006.003 enqwelweni yesithathu ibingamahashe amhlophe; enqwelweni yesine ibingamahashe aziingwevu ezibomvu.
6:4b.ZEC.006.004 Ndaphendula ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam?
6:5b.ZEC.006.005 Saphendula ke isithunywa, sathi kum, Le yimimoya emine esezulwini, ephuma yakuba ibizimisile ngakwiNkosi yehlabathi lonke.
6:6b.ZEC.006.006 Le inamahashe amnyama iphuma isiya ezweni langasentla; amhlophe aphume elandela wona; aziingwevu ezibomvu aphume esiya ezweni langasezantsi;
6:7b.ZEC.006.007 abomvu aphuma, efuna ukulihambahamba ihlabathi. Sathi, Hambani, nilihambahambe ihlabathi. Alihambahamba ke ihlabathi.
6:8b.ZEC.006.008 Sadanduluka kum, sathetha kum, sathi, Yabona, la aphuma aya ezweni langasentla, awuzolise umoya wam ezweni langasentla.
6:9b.ZEC.006.009 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
6:10b.ZEC.006.010 Thabatha kwabasekuthinjweni, abaze khona bevela eBhabheli, kooHeledayi, nakooTobhiya, nakooYedaya, uye wena ngaloo mini endlwini kaYosiya unyana kaZefaniya;
6:11b.ZEC.006.011 uthabathe isilivere negolide, wenze izithsaba, ubeke entloko kuYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu.
6:12b.ZEC.006.012 Uze uthethe kuye uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Nantso indoda enguHlumelo, igama layo; iya kuhluma endaweni yayo, iyakhe itempile kaYehova.
6:13b.ZEC.006.013 Iya kuyakha ke yona itempile kaYehova, ithweswe uzuko, ihlale ilawule etroneni yayo, ibe ngumbingeleli etroneni yayo, icebo loxolo libe phakathi kwabo bobabini.
6:14b.ZEC.006.014 Izithsaba zoba kooHelem, nakooTobhiya, nakooYedaya, zibe sisikhumbuzo sobubele bonyana kaZefaniya, etempileni kaYehova.
6:15b.ZEC.006.015 Baya kuza abakude bakhe etempileni kaYehova; nazi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuni; kuya kwenzeka ke, ukuba nithe naliphulaphula ngenyameko ilizwi likaYehova uThixo wenu.
7
7:1b.ZEC.007.001 Kwathi ngomnyaka wesine kaDariyo ukumkani, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya ngosuku lwesine lwenyanga yesithoba, enguKisilevu.
7:2b.ZEC.007.002 IBheteli ke yathuma ooSharetsere noRegem-meleki nabantu bakhe, ukuba bambongoze uYehova,
7:3b.ZEC.007.003 bathethe kubabingeleli ababesendlwini kaYehova wemikhosi, nakubaprofeti, bathi, Ndilile na, ndizile na ngenyanga yesihlanu, njengoko ndisendenze ngako le minyaka ingaka?
7:4b.ZEC.007.004 Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi,
7:5b.ZEC.007.005 Thetha kubantu bonke belizwe eli, nakubabingeleli, uthi, Oko benizila ukudla, nilila, ngenyanga yesihlanu nangeyesixhenxe, iminyaka ke engamashumi asixhenxe, ukuzila oko benizilela mna na?
7:6b.ZEC.007.006 Xa benisidla naxa benisela, bekungadli nina na, bekungaseli nina na?
7:7b.ZEC.007.007 Beningafanele kuwenza yini na amazwi, abewamemeza uYehova ngabaprofeti bamandulo, oko ibimiwe ichulumachile iYerusalem, kwanemizi yayo engeenxa zonke kuyo, naoko belimiwe elasezantsi nelasesithabazi?
7:8b.ZEC.007.008 Kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya, lisithi,
7:9b.ZEC.007.009 Utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Gwebani ngesigwebo senyaniso, nenze inceba nemfesane elowo kumzalwana wakhe.
7:10b.ZEC.007.010 Musani ukubacudisa abahlolokazi, neenkedama, nabasemzini, namahlwempu; musani ukucinga bubi entliziyweni yenu ngendoda engumzalwana wenu.
7:11b.ZEC.007.011 Abavumanga ke ukubaza indlebe; balirhola igxalaba elinjubaqa, bazithi nkqi iindlebe zabo, abeva.
7:12b.ZEC.007.012 Intliziyo yabo bayenza idayiman, ukuba bangawuvi umyalelo namazwi, abewathumela uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bamandulo; kwabakho ke uburhalarhume obukhulu obuvela kuYehova wemikhosi.
7:13b.ZEC.007.013 Kuya kuthi ke, njengoko ebememeza bengeva, benjenjalo ukumemeza, utsho uYehova wemikhosi, ndingevi.
7:14b.ZEC.007.014 Ndiya kubachithachithela ezintlangeni zonke ababengazazi; kube senkangala elizweni emva kwabo, kungacandi mntu, kungabuyi mntu; balenze ke ilizwe elinqwenelekayo kube senkangala kulo.
8
8:1b.ZEC.008.001 Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi, lisithi,
8:2b.ZEC.008.002 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeZiyon; ndinekhwele, ndinobushushu obukhulu ngayo.
8:3b.ZEC.008.003 Utsho uYehova ukuthi, Ndiyibuyele iZiyon; ndiya kuhlala ke phakathi kweYerusalem, kuthiwe iYerusalem ngumzi wenyaniso; nentaba kaYehova wemikhosi kuthiwe yintaba engcwele.
8:4b.ZEC.008.004 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kusaya kuhlala amadoda amakhulu neentokazi ezinkulu ezitratweni zaseYerusalem, elowo ephethe umsimelelo wakhe ngesandla, ngenxa yobudala babo;
8:5b.ZEC.008.005 zizale izitrato zomzi ngamakhwenkwe namantombazana, edlala ezitratweni zawo.
8:6b.ZEC.008.006 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba kuyinto engummangaliso emehlweni amasalela aba bantu ngaloo mihla, kuya kuba yinto engummangaliso yini na nasemehlweni am? utsho uYehova wemikhosi.
8:7b.ZEC.008.007 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndiya kubasindisa abantu bam elizweni lokuphuma kwelanga, naselizweni lokutshona kwalo.
8:8b.ZEC.008.008 Ndobazisa, bahlale phakathi kweYerusalem, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo, ngenyaniso nangobulungisa.
8:9b.ZEC.008.009 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Izandla zenu mazomelele, nina bawevayo la mazwi ngale mihla, ephuma emlonyeni wabaprofeti, ababekho mhlenikweni yasekwayo indlu kaYehova wemikosi, itempile, ukuze yakhiwe.
8:10b.ZEC.008.010 Ngokuba phambi kwaloo mihla bekungekho mvuzo wabantu, nomvuzo weenkomo ubungekho; nophumayo nongenayo ebengenaluxolo, ngenxa yombandezeli. Ndabenza bonke ukuba umntu achasane nommelwane wakhe.
8:11b.ZEC.008.011 Ngoku ke andiyi kuba njengokwemihla yamandulo kumasalela aba bantu; utsho uYehova wemikhosi.
8:12b.ZEC.008.012 Kobakho imbewu yoxolo; umdiliya wonika isiqhamo sawo, nelizwe linike indyebo yalo, nezulu linike umbethe walo; zonke ezo zinto ndizidlise ilifa amasalela abantu.
8:13b.ZEC.008.013 Kothi, njengoko benilutshabhiso ezintlangeni, ndlu kaYuda, nani ndlu kaSirayeli, ndenjenjalo ukunisindisa, nibe yintsikelelo; musani ukoyika, mazomelele izandla zenu.
8:14b.ZEC.008.014 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Njengoko ndankqangiyelayo ukwenza ububi kuni, oko ooyihlo bandenza ndaba noburhalarhume, utsho uYehova wemikhosi, andazohlwaya ke:
8:15b.ZEC.008.015 ngokunjalo ndibuye ndankqangiyela ngale mihla ukwenza okulungileyo kwiYerusalem, nakwindlu kaYuda; musani ukoyika.
8:16b.ZEC.008.016 Nanzi iindawo enothi nizenze zona: Thethani inyaniso elowo kummelwane wakhe; gwebani ngenyaniso nangesigwebo soxolo emasangweni enu.
8:17b.ZEC.008.017 Musani ukucinga okubi, elowo ngommelwane wakhe entliziyweni yakhe; ningathandi ukufunga ngobuxoki; ngokuba konke oko; koko ndikuthiyileyo; utsho uYehova.
8:18b.ZEC.008.018 Ezinye iintlanga ziya kumfuna uYehova Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi,
8:19b.ZEC.008.019 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Uzilo lweyesine inyanga, nozilo lweyesihlanu, nozilo lweyesixhenxe, nozilo lweyeshumi, luya kuba yimihlali, nemivuyo, namaxesha emisiweyo okuchwayitha, kwindlu kaYuda; ke thandani inyaniso noxolo.
8:20b.ZEC.008.020 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kusaya kuza izizwe, nabemi bemizi emininzi.
8:21b.ZEC.008.021 Baya kuhamba abemi bomnye baye komnye, bathi, Masihambe siye kumbongoza uYehova, simquqele uYehova wemikhosi; bathi abo, Siya kuhamba nathi.
8:22b.ZEC.008.022 Izizwe ezininzi neentlanga ezinamandla ziya kuza kumquqela uYehova wemikhosi eYerusalem, zimbongoze uYehova.
8:23b.ZEC.008.023 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngezo mini aya kuthi abambe amadoda alishumi asezilwimini zonke zeentlanga, abambe esondweni lengubo yendoda engumYuda, athi, Siya kuhamba nani, ngokuba sivile ukuba uThixo unani.
9
9:1b.ZEC.009.001 Isihlabo selizwi likaYehova esisingisele elizweni laseHadraki; yiDamasko indawo yokuphumla kwaso; ngokuba uYehova usingise iliso ebantwini, nasezizweni zonke zakwaSirayeli;
9:2b.ZEC.009.002 kwaneHamati ehlangene nayo ngomda; iTire neTsidon, nakuba zilumkile kakhulu.
9:3b.ZEC.009.003 ITire yazakhela inqaba, yafumba isilivere njengothuli, negolide njengodaka lwezitrato.
9:4b.ZEC.009.004 Yabona, iNkosi iya kuyihlutha, ibubethe ubuhandiba bayo elwandle, yona itshiswe ngumlilo.
9:5b.ZEC.009.005 IAshkelon iya kukubona, yoyike; neGaza iya kukubona, ithuthumele kakhulu; kwane-Ekron, kuba inqolonci yayo iya kudaniswa, adake ukumkani, angabikho eGaza, neAshkelon ingemiwa.
9:6b.ZEC.009.006 Kuya kuhlala imigqakhwe eAshdode, ndinqumle iqhayiya lamaFilisti.
9:7b.ZEC.009.007 Ndolisusa igazi lemibingelelo yawo emlonyeni wawo, nezinto zawo ezinezothe emazinyweni awo; kwanawo aya kusalela uThixo wethu, abe njengenkosana kwaYuda, ne-Ekron ibe njengomYebhusi.
9:8b.ZEC.009.008 Ndoyinqabisa indlu yam kumkhosi, kodlulayo nakobuyayo, kungabi sacanda mkhandanisi kubo; ngokuba ngoku ndibonile ngamehlo am.
9:9b.ZEC.009.009 Gcoba kunene, ntombi inguZiyon; duma, ntombi inguYerusalem; yabona, uKumkani wakho uza kuwe, elilungisa, enosindiso, enentobeko, ekhwele e-esileni, exhamxweni, etholeni lemazi ye-esile.
9:10b.ZEC.009.010 Ndozinqumla iinqwelo zokulwa kwaEfrayim namahashe eYerusalem, sinqunyulwe isaphetha sokulwa; athethe uxolo kwiintlanga; ulawulo lwakhe luthabathele elwandle luse elwandle, luthabathele kuwo uMlambo luse eziphelweni zehlabathi.
9:11b.ZEC.009.011 Nawe, ngenxa yegazi lomnqophiso wakho, ndiyabandulula ababanjiweyo bakho, baphume emhadini ongenamanzi.
9:12b.ZEC.009.012 Buyelani enqabeni, babanjwandini banethemba; nanamhla ndiyaxela, ndithi, Ndiya kukubuyisela ngokuphindiweyo.
9:13b.ZEC.009.013 Ngokuba ndimgobile uYuda, isaphetha sam; ndimfakile uEfrayim, utolo lwam; ndiya kubaxhokonxa oonyana bakho, Ziyon, koonyana bakho, Yavan, ndikwenze ube njengekrele legorha.
9:14b.ZEC.009.014 UYehova uya kubonakala phezu kwabo, luphume njengombane utolo lwakhe; iNkosi uYehova iya kuvuthela isigodlo, ihambe ngemimoya evuthuzayo yasezantsi.
9:15b.ZEC.009.015 UYehova wemikhosi uya kubakhusela ngaphezulu, badle, banyathele amatye okusawula, basele, baxokozele ngokwasewayinini; bazale ngokweengqayi, ngokweembombo zesibingelelo.
9:16b.ZEC.009.016 Wobasindisa abantu bakhe uYehova uThixo wabo ngaloo mini, njengomhlambi ngokuba bengamatye esithsaba, abengezela emhlabeni wakhe.
9:17b.ZEC.009.017 Kuba kungakanani na ukulunga kwabo, bungakanani na ubuhle babo! Ingqolowa iya konwabisa umlisela, iwayini entsha iwonwabise umthinjana.
10
10:1b.ZEC.010.001 Celani imvula kuYehova ngexesha lemvula evuthisayo. UYehova wenza imibane, abanike imvula eziziphango, elowo amnike umfuno wasendle.
10:2b.ZEC.010.002 Ngokuba imilonde-khaya ithethe into ebubutshinga, nabavumisi babone ubuxoki, balawula amaphupha enkohlakalo, bathuthuzela kwangamampunge; ngenxa yoko bakhokile njengomhlambi, bacinezeleka, kuba kungekho malusi.
10:3b.ZEC.010.003 Umsindo wam uvuthela abalusi; ndozivelela ngawo iinkunzi ezikhokelayo; kuba uYehova wemikhosi uyawuvelela umhlambi wakhe, indlu kaYuda, abenze babe njengogcadalala lwakhe lwehashe emfazweni.
10:4b.ZEC.010.004 Kuya kuphuma kuye ilitye lembombo; kuya kuphuma kuye ibhaxa; kuya kuvela kuye isaphetha sokulwa; kuya kuvela kuye bonke abakhandanisi ngakunye.
10:5b.ZEC.010.005 Baya kuba njengamagorha, enyathelela iintshaba zawo eludakeni lwezitrato, kusiliwa; balwe, ngokuba uYehova enabo; badane abakhweli bamahashe.
10:6b.ZEC.010.006 Ndiya kuyomeleza indlu kaYuda, ndiyisindise indlu kaYosefu, ndibahlalise; kuba ndisikwa yimfesane ngenxa yabo; boba ngangabo ndingabahlambanga, ngokuba ndinguYehova uThixo wabo ndobaphendula.
10:7b.ZEC.010.007 Woba njengegorha uEfrayim, ivuye intliziyo yabo ngokwasewayinini; oonyana babo babone, bavuye; iya kugcoba intliziyo yabo kuYehova.
10:8b.ZEC.010.008 Ndiya kubenzela ikhwelo, ndibabuthe; ngokuba ndibakhulule ngokubahlawulela; baya kwanda, njengoko babesanda ngako.
10:9b.ZEC.010.009 Ndobahlwayela ezizweni, bandikhumbule emazweni akude, baphile noonyana babo, babuye.
10:10b.ZEC.010.010 Ndobabuyisa ezweni laseYiputa, ndibabuthe eAsiriya, ndibazise ezweni laseGiliyadi nelaseLebhanon, kungafumaneki ndawo ibalingeneyo.
10:11b.ZEC.010.011 UYehova uya kucanda kulwandle lwembandezelo, abethe emazeni olwandle, zitshe zonke iziziba zoMnayile; lithotywe iqhayiya laseAsiriya, imke intonga yaseYiputa.
10:12b.ZEC.010.012 Ndobomeleza ngoYehova, bahambahambe egameni lakhe; utsho uYehova.
11
11:1b.ZEC.011.001 Vula amasango akho, Lebhanon, uyitshise ngomlilo imisedare yakho.
11:2b.ZEC.011.002 Bhomboloza, msipres, ngokuba kuwe umsedare, ngenxa yokuba iingangamsha zibhuqiwe. Bhombolozani, mioki yaseBhashan, ngokuba lihlahliwe ihlathi elinwabileyo.
11:3b.ZEC.011.003 Yivani ukubhomboloza kwabalusi, ngokuba bubhuqiwe ubungangamsha babo! Yivani ukubharhula kweengonyama ezintsha, ngokuba libhuqiwe iqhayiya laseYordan!
11:4b.ZEC.011.004 Watsho uYehova uThixo wam, ukuthi, Yalusa umhlambi wezixhelwayo;
11:5b.ZEC.011.005 obathengi bawo bawubulalayo, bathi abanatyala; nabathengisa ngawo bathi, Makabongwe uYehova, ndinobutyebi; nabalusi bawo abawucongi.
11:6b.ZEC.011.006 Ngokuba andiyi kubuya ndibaconge abemi behlabathi; utsho uYehova. Yabona, abantu ndibanikela, elowo esandleni sommelwane wakhe, nasesandleni sokumkani wakhe, baliqobe ilizwe, ndingabahlanguli esandleni sabo.
11:7b.ZEC.011.007 Ndawalusa ke umhlambi wezixhelwayo, kunye nezinqinileyo zomhlambi. Ndathabatha iintonga zambini, enye ndathi nguMnandi, enye ndathi nguZintya; ndawalusa ke umhlambi.
11:8b.ZEC.011.008 Ndabetha bathishwaka abalusi abathathu nganyanga-nye; ndazekaneka ngabo, ndanezothe kubo.
11:9b.ZEC.011.009 Ndathi, Andiyi kunalusa; efayo mayife; nethi shwaka mayithi shwaka, neziseleyo mazidlane inyama.
11:10b.ZEC.011.010 Ndathabatha intonga yam, uMnandi, ndayaphula, ukuze ndiwaphule umnqophiso wam endanqophisana ngawo nezizwe zonke.
11:11b.ZEC.011.011 Waphulwa ke ngaloo mini; zazi ngokunjalo ezinqinileyo zomhlambi, ebe zindiphulaphule, ukuba lilizwi likaYehova eli.
11:12b.ZEC.011.012 Ndathi kuwo, Ukuba kulungile emehlweni enu, etheni umvuzo wam; ukuba akulungile, yekani. Bandilinganisela ke umvuzo wam, amashumi amathathu esilivere.
11:13b.ZEC.011.013 Wathi uYehova kum, Yiphose kumbumbi, ixabiso elingengangani, abandimisela lona. Ndawathabatha ke amashumi amathathu esilivere, ndawaphosa kumbumbi endlwini kaYehova.
11:14b.ZEC.011.014 Ndayaphula intonga yam yesibini, uZintya, ukuze ndibutshitshise ubuzalwana phakathi koYuda noSirayeli.
11:15b.ZEC.011.015 Wathi uYehova kum, Phinda uthabathe impahla yomalusi osisimathane.
11:16b.ZEC.011.016 Ngokuba, yabona, ndivelisa umalusi elizweni apha, ongayi kuzivelela eziza kuthi shwaka; akayi kuzifuna ezilusali; akayi kuziphilisa ezaphukileyo; akayi kuzondla ezimiyo; inyama yezityebileyo uya kuyidla, awalimaze amanqina azo.
11:17b.ZEC.011.017 Yeha, umalusi ongento, owulahlayo umhlambi! Ikrele malibe phezu kwengalo yakhe, neliso lakhe lasekunene! Ingalo yakhe iya koma kanye, neliso lakhe lasekunene licime okukanye.
12
12:1b.ZEC.012.001 Isihlabo selizwe likaYehova, esisingisele kuSirayeli. Utsho uYehova, umaneki wezulu, umseki wehlabathi, umenzi womoya womntu phakathi kwakhe, ukuthi,
12:2b.ZEC.012.002 Yabona, iYerusalem ndiyenza ibe yindebe enombilini, yokuhexisa zonke izizwe ngeenxa zonke, imfikele noYuda ekungqingweni kweYerusalem.
12:3b.ZEC.012.003 Kothi ngaloo mini, ndiyenze iYerusalem ibe lilitye elingumthwalo ezizweni zonke; bonke abalifunqulayo baya kuzisikisa, bazilimazise, ziyihlanganyele zonke iintlanga zehlabathi.
12:4b.ZEC.012.004 Ngaloo mini, utsho uYehova, ndiya kuwabetha othuke amahashe onke, ndibabethe babe nomgada abakhweli bawo, ndiwavule amehlo am phezu kwendlu kaYuda, onke amahashe ezizwe ndiwabethe abe ziimfama.
12:5b.ZEC.012.005 Zothi iinkosana zakwaYuda ezintliziyweni zazo, Bangamandla am abemi baseYerusalem, ngoYehova wemikhosi, uThixo wabo.
12:6b.ZEC.012.006 Ngaloo mini ndiya kuzenza iinkosana zakwaYuda zibe njengokhamba lomlilo ezinkunini, nanjengezikhuni ezitshangaziswayo ezithungwini, zizitshise ngasekunene nangasekhohlo izizwe zonke ngeenxa zonke; iYerusalem ibuye imiwe esikhundleni sayo eYerusalem.
12:7b.ZEC.012.007 UYehova uya kusindisa iintente zakwaYuda kuqala, ukuze isihombo sendlu kaDavide, nesihombo sabemi baseYerusalem, singazikhulisi ngaphezu koYuda.
12:8b.ZEC.012.008 Ngaloo mini uYehova uya kubakhusela ubemi baseYerusalem; athi okhubekayo phakathi kwabo abe njengoDavide ngaloo mini; indlu kaDavide ibe njengoThixo, njengesithunywa sikaYehova phambi kwabo.
12:9b.ZEC.012.009 Kothi ngaloo mini, ndifune ukuzitshabalalisa zonke iintlanga eziyingenelayo iYerusalem.
12:10b.ZEC.012.010 Ndothululela phezu kwendlu kaDavide, naphezu kwabemi baseYerusalem, uMoya wokubabala nowokutarhuzisa, babheke kum mna bamhlabileyo amahlanza; bammbambazelele njengokumbambazelelwa kozelwe wamnye, babe krakra ngenxa yakhe, njengokrakra ngenxa yamazibulo akhe.
12:11b.ZEC.012.011 Ngaloo mini siya kuba sikhulu isililo eYerusalem, sibe njengesililo saseHadade-rimon esihlanjeni seMegido.
12:12b.ZEC.012.012 Liya kulila ilizwe, imizalwane ngemizalwane iyodwa; umzalwane wendlu kaDavide uwodwa, abafazi babo bebodwa; umzalwane wendlu kaNatan uwodwa, abafazi babo bebodwa;
12:13b.ZEC.012.013 umzalwane wendlu kaLevi uwodwa, abafazi babo bebodwa; umzalwane wamaShimehi uwodwa, abafazi bawo bebodwa;
12:14b.ZEC.012.014 yonke imizalwane eseleyo, imizalwane ngemizalwane iyodwa, nabafazi babo bebodwa.
13
13:1b.ZEC.013.001 Ngaloo mini kuya kubakho ithende elivulelwe indlu kaDavide nabemi baseYerusalem, ngenxa yesono nangenxa yokungcola.
13:2b.ZEC.013.002 Kothi ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, ndiwanqumle amagama ezithixo elizweni, zingabi sakhunjulwa; nabaprofeti nomoya wobunqambi ndibagqithise, bangabikho ezweni apha.
13:3b.ZEC.013.003 Kothi xa athe wabuya waprofeta ubani, bathi kuye uyise nonina abamzalayo. Akuyi kuphila, kuba uthethe ubuxoki egameni likaYehova. Uyise nonina abamzalayo bomhlaba amahlanza ngenxa yokuprofeta kwakhe.
13:4b.ZEC.013.004 Kothi ngaloo mini, badane abaprofeti, elowo ngumbono wakhe, ekuprofeteni kwakhe, bangambathi ngubo ixhonti yokuze bakhohlise.
13:5b.ZEC.013.005 Wothi, Andimprofeti, ndingumntu olima umhlaba; kuba wandithenga umntu ndisemncinane.
13:6b.ZEC.013.006 Kothiwa kuye, Ayini na la manxeba asezandleni zakho? athi, Ngandangxwelerhwa ngawo endlwini yabazizihlobo zam.
13:7b.ZEC.013.007 Krele, vuka usukele phezulu kumalusi wam, kumfo ongummelwane, utsho uYehova wemikhosi; betha kumalusi, umhlambi ube lusali; ndisibuyisele isandla sam phezu kwezincinane.
13:8b.ZEC.013.008 Kothi ezweni lonke, utsho uYehova, izahlulo ezibini kulo zinqanyulwe zife, esesithathu sihlale kulo.
13:9b.ZEC.013.009 Ndosizisa emlilweni esesithathu, ndibanyibilikise njengokunyibilikiswa kwesilivere, ndibacikide njengokucikidwa kwegolide. Bona baya kunqula igama lam, ndibaphendule mna; ndiya kuthi, Ngabantu bam bona; bathi bona, Yehova, unguThixo wethu.
14
14:1b.ZEC.014.001 Yabonani, kuza imini eyekaYehova, kwabiwe amaxhoba akho esazulwini sakho.
14:2b.ZEC.014.002 Ndozihlanganisela eYerusalem zonke iintlanga ukuba zilwe; umzi uthinjwe, ziphangwe izindlu, badlwengulwe abafazi; siphume isiqingatha somzi sithinjwe; ke amasalela abantu anganqunyulwa wona kuwo umzi.
14:3b.ZEC.014.003 Uya kuphuma ke uYehova, alwe nezo ntlanga, njengemini yokulwa kwakhe, ngemini yomdibaniso.
14:4b.ZEC.014.004 Ziya kuma iinyawo zakhe ngaloo mini phezu kweNtaba yemiNquma, ephambi kweYerusalem ngasempumalanga, icandeke iNtaba yemiNquma phakathi, ithabathele empumalanga ise entshonalanga, ibe sisihlambo esikhulu kakhulu; sisunduzeke isiqingatha sentaba sisinge entla, esinye isiqingatha sayo sisinge ezantsi.
14:5b.ZEC.014.005 Nosabela esihlanjeni seentaba zam, kuba isihlambo seentaba ezo siya kufika naseAtsele; nisabe njengoko nasabayo ngenxa yenyikima emihleni kaUziya ukumkani wakwaYuda, eze uYehova uThixo wam, eneengcwele zakhe zonke.
14:6b.ZEC.014.006 Kothi ngaloo mini kungabi mhlophe, iinkwenkwezi ezinendili zibe luzizi.
14:7b.ZEC.014.007 Kuya kuba yimini eyodwa; yona iya kwazeka kuYehova; ayimini, ayibusuku; kuthi ngexa langokuhlwa kube mhlophe.
14:8b.ZEC.014.008 Kothi ke ngaloo mini, kuphume eYerusalem amanzi aphilileyo: esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasempumalanga, esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasentshonalanga; kube njalo ehlotyeni nasebusika.
14:9b.ZEC.014.009 UYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke; ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa.
14:10b.ZEC.014.010 Ilizwe lonke liya kujika libe njengeArabha, lithabathele eGebha lise eRimon, ezantsi kweYerusalem; liphakame, lihlale esikhundleni salo, lithabathele esangweni lakwaBhenjamin, lise endaweni yesango lokuqala, lise esangweni lembombo; lithabathele enqabeni ende yakwaHananeli, lise ezixovulelweni zokumkani.
14:11b.ZEC.014.011 Bohlala kulo, kungabi sabakho kusingela phantsi; ihlale iYerusalem ikholosile.
14:12b.ZEC.014.012 Siso esi isibetho aya kuzibetha ngaso uYehova zonke izizwe eziyiphumele umkhosi iYerusalem: uya kuyingcungcuthekisa inyama yomntu, emi ngeenyawo zakhe, aphelele amehlo akhe emakrolomeni awo, luphelele ulwimi wakhe emlonyeni wakhe.
14:13b.ZEC.014.013 Kothi ngaloo mini, sibe sikhulu isaqunge phakathi kwazo, siphuma kuYehova; babambe elowo isandla sommelwane wakhe, isandla sakhe siphakamele isandla sommelwane wakhe.
14:14b.ZEC.014.014 Naye uYuda uya kulwa nazo eYerusalem; buhlanganiswe ubutyebi beentlanga zonke ezingeenxa zonke, igolide, nesilivere, neengubo, into eninzi kakhulu.
14:15b.ZEC.014.015 Soba njalo isibetho kumahashe, nakoondlebende, nakwiinkamela, nakunaesile, nakwiinkomo zonke eziya kuba seminqubeni leyo, sibe njengeso sibetho.
14:16b.ZEC.014.016 Othi onke amaqongqolo eentlanga zonke ezibe ziyingenele iYerusalem, enyuke iminyaka ngeminyaka, aye kumnqula uKumkani, uYehova wemikhosi, enze umthendeleko weminquba.
14:17b.ZEC.014.017 Kothi emizalwaneni yehlabathi, osukuba engenyuki aye kumnqula eYerusalem uKumkani, uYehova wemikhosi, anganelwa mvula.
14:18b.ZEC.014.018 Uya kuthi umzalwane wamaYiputa ongathanga unyuke uze, anganelwa mvula; yoba sisibetho, aya kubetha ngaso uYehova zonke iintlanga ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.
14:19b.ZEC.014.019 Siya kuba seso isohlwayo sesono seYiputa, nesohlwayo sesono seentlanga zonke ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.
14:20b.ZEC.014.020 Ngaloo mini kuya kubhalwa emankentezeni amahashe, kuthiwe, bubungcwele kuYehova; neembiza endlwini kaYehova zoba njengezitya zokutshiza eziphambi kwesibingelelo.
14:21b.ZEC.014.021 Zothi zonke iimbiza eYerusalem nakwaYuda zibe ngcwele kuYehova wemikhosi; beze bonke ababingelelayo, bathabathe kuzo, baphekele kuzo; ngaloo mini kungabi sabakho mKanan endlwini kaYehova wemikhosi.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Zechariah (Xhosa). Zechariah (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3E5-9