Micah (Xhosa)
1
1:1b.MIC.001.001 Ilizwi likaYehova elafika kuMika waseMoreshete, ngemihla kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda, awalibonayo ngokusingisele kwelakwaSamari neYerusalem.
1:2b.MIC.001.002 Yivani nonke, zizwe niphela; bazani indlebe, hlabathi nenzaliseko yalo; mayibe lingqina iNkosi uYehova ngani, iNkosi etempileni yayo engcwele.
1:3b.MIC.001.003 Kuba nanko uYehova ephuma endaweni yakhe, eya kuhla, anyathele phezu kwemimango yehlabathi.
1:4b.MIC.001.004 Ziya kunyibilika iintaba phantsi kwakhe, zicandeke izihlambo, njengomthwebeba phambi komlilo, njengamanzi ephalazwe exandekeni.
1:5b.MIC.001.005 Konke oko kungesikreqo sakwaYakobi, kungesono sendlu kaSirayeli. Ngubani na obange isikreqo sakwaYakobi? AsingowakwaSamari na? Ngubani na obange iziganga zakwaYuda? AsingowaseYerusalem na?
1:6b.MIC.001.006 Ngoko ke ndolenza elakwaSamari libe yimfumba yamatye esisimi, libe ziindawo zokutyala imidiliya; ndiwaphose amatye alo emfuleni, ndizityhile iziseko zalo.
1:7b.MIC.001.007 Iya kuqotywa yonke imifanekiso yalo eqingqiweyo, lutshiswe ngomlilo lonke utsheqo lwalo, ndizichithe zonke izithixo zalo; ngokuba lizibuthe ngotsheqo lwehenyukazi, ziya kubuya ke zibe lutsheqo lwehenyukazi.
1:8b.MIC.001.008 Ngoko ke ndiya kumbambazela, ndibhomboloze; ndiya kuhamba ndihlunyulwe, ndishiywe ndize; ndiya kukhala njengempungutye, ndilile njengenciniba.
1:9b.MIC.001.009 Kuba amanxeba alo akanakunyangwa; ngokuba kude kwafika nakwaYuda, kwada kwafika esangweni labantu bam eYerusalem.
1:10b.MIC.001.010 Musani ukukuxela eGati, musani ukulila nokulila; eBhetele-afra ndizigalele ngothuli.
1:11b.MIC.001.011 Dlulani, bemi baseShafire, nihambe ze ngokulihlazo; abemi baseTsanan abaphumanga: umbambazelo lwaseBhete-etsele lunihlutha ukuma kwenu kuyo.
1:12b.MIC.001.012 Kuba abemi baseMaroti bazibhijabhija ngenxa yokulungileyo; kuba kuhle ububi buphuma kuYehova, beza esangweni leYerusalem.
1:13b.MIC.001.013 Bophani iimbaleki ezinqwelweni zokulwa, bemi baseLakishe; ibikukuqala kwesono entombini enguZiyon, ukuthi zifunyanwe kuyo izikreqo zakwaSirayeli.
1:14b.MIC.001.014 Ngako oko uya kuyinika iMoreshete yaseGati inqakwe; izindlu zaseAkezibhi ziya kuba ngumlambo okhohlisayo kookumkani bakwaSirayeli.
1:15b.MIC.001.015 Ndisaya kuyizisa indlalifa kuni, bemi baseMaresha; baya kufika eAdulam abazukileyo bakwaSirayeli. Chebani, niziguye iintloko, ngenxa yoonyana beziyolo zenu;
1:16b.MIC.001.016 kwenzeni banzi ukucheba kwenu, njengexhalanga; kuba bathinjiwe kuwe.
2
2:1b.MIC.002.001 Athi ke, abo bacinga ubutshinga, basebenze ububi ezililini zabo! abathi ekukhanyeni kwengomso babenze, ngokuba isandla sabo singuthixo wabo.
2:2b.MIC.002.002 Banqwenela amasimi, bawahluthe; kwanezindlu, bazithabathe; bacudisa umfo nendlu yakhe, indoda nelifa layo.
2:3b.MIC.002.003 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndicinga ububi ngale mizalwane, eningayi kuzirhola iintamo zenu kubo, ningahambi niqhankqalaza; kuba lixesha lobubi.
2:4b.MIC.002.004 Ngaloo mini kuya kwenziwa umzekeliso ngani, bameme isimema, kuthiwe, Kwenzekile; sibhuqiwe sabhuqwa. Isahlulo sabantu bakowethu usananisile; hayi, ukusisusa kwakhe kum! amasimi ethu uwabela amaphamba.
2:5b.MIC.002.005 Ngako oko akuyi kuba naye okuphosela ulutya kwiqashiso ebandleni likaYehova.
2:6b.MIC.002.006 Bathi, Musani ukuwisa intetho, bewisa intetho; ukuba abathe bawisa intetho kubo abo, akayi kubuya umva amahlazo.
2:7b.MIC.002.007 Wena kuthiwa uyindlu kaYakobi, uyazekaneka na uMoya kaYehova? kukwenza kwakhe na oku? Akalungisi na amazwi am kohamba ngokuthe tye?
2:8b.MIC.002.008 Izolo eli abantu bam basuke ngokotshaba; nibahluba ingubo ende yokwaleka kwengaphantsi, abadlula bekholosile, bengathandi kulwa.
2:9b.MIC.002.009 Abafazi babantu bam niyabagxotha ezindlwini zeziyolo zabo; ebantwaneni babo nizithabathile izivatho zam ngonaphakade.
2:10b.MIC.002.010 Sukani, nihambe; kuba asiyiyo indawo yokuphumla kwenu le; ngenxa yobunqambi bayo obonakalisayo, obonakalisayo kakhulu.
2:11b.MIC.002.011 Ukuba bekukho umntu ohamba nomoya, exokisa ngamanga, esithi, Ndiya kuwisa intetho kuwe ngokusingisele kwiwayini, nakwisiselo esinxilisayo, ubeya kuba ngumwisi-ntetho kwaba bantu.
2:12b.MIC.002.012 Ndiya kukuhlanganisa okunene, Yakobi, uphela; okunene ndiya kuwabutha amasalela akwaSirayeli; ndiya kubenza babe banye, njengempahla emfutshane yaseBhotsera, njengomhlambi ophakathi kwedlelo lawo; baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabantu.
2:13b.MIC.002.013 Unyuke phambi kwabo umgqobhozi; bayagqobhoza, bayangena esangweni, bayaphuma kwangalo; ukumkani wabo uhamba phambi kwabo, uYehova esentloko kubo.
3
3:1b.MIC.003.001 Ndathi, Khanive, zintloko zakwaYakobi, nani baphathi bendlu kaSirayeli; asikokwenu na ukukwazi okusesikweni?
3:2b.MIC.003.002 nina, bathiyi bokulungileyo, bathandi bokubi; nina bahlinzi bolusu lwabantu, nenyama yabo emathanjeni abo;
3:3b.MIC.003.003 nina, bayidlileyo inyama yabantu bam; balobula ulusu iwabo; bawaphula amathambo abo; bawaxhaxha ngathi ngawembiza, ngathi yinyama kungxawu.
3:4b.MIC.003.004 Baya kwandula bakhale kuYehova, angabaphenduli: asuke abusithelise ubuso bakhe kubo ngelo xesha, njengoko bazenze zambi iintlondi zabo.
3:5b.MIC.003.005 Utsho uYehova ngokusingisele kubaprofeti ababandwendwisayo abantu bakowethu; abathi, xa banokuhlafunwayo, baze bamemeze uxolo: bathi, osukuba engafaki nto emlonyeni wabo, bamngcwalisele imfazwe, ukuthi:
3:6b.MIC.003.006 Ngako oko niya kuba nobusuku, iphuthe imibono; nibe nobumnyama, kuphuthe ukuvumisa; litshone ilanga kubaprofeti, ibe mnyama imini kubo.
3:7b.MIC.003.007 Ziya kudana iimboni, babe neentloni abavumisi, bazigqubuthele iindevu bonke bephela; ngokuba kungekho mpendulo kaThixo.
3:8b.MIC.003.008 Ke mna ndizele ngamandla ngomoya kaYehova, ndizele kokusesikweni nobugora, ukuze ndimxelele uYakobi ukreqo lwakhe, uSirayeli isono sakhe.
3:9b.MIC.003.009 Khanive oku, nina zintloko zendlu kaYakobi, nani baphathi bendlu kaSirayeli, abakwenza amasikizi okusesikweni, bakujikajike konke okuthe tye;
3:10b.MIC.003.010 abayakha iZiyon ngamagazi, neYerusalem ngobugqwetha.
3:11b.MIC.003.011 Iintloko zayo zigweba ngenxa yesicengo, nababingeleli bayo bayayala ngenxa yomvuzo, nabaprofeti bayo bavumisa ngenxa yemali; baze bayame ngoYehova, besithi, UYehova akaphakathi kwethu, yini na? asiyi kuzelwa bubi.
3:12b.MIC.003.012 Ngako oko, ngenxa yenu iya kulinywa iZiyon ibe yintsimi, iYerusalem ibe yimiwewe, intaba yayo indlu ibe yimimango yehlathi.
4
4:1b.MIC.004.001 Ke kaloku, ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova iya kuzinza encotsheni yazo iintaba, yona iziphakamele iinduli, zibe ngumsinga izizwe ukuya kuyo.
4:2b.MIC.004.002 Ziya kubamba iintlanga ezininzi, zithi, Hambani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini yoThixo kaYakobi, ukuze asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe; kuba uya kuphuma eZiyon umyalelo, nelizwi likaYehova eYerusalem.
4:3b.MIC.004.003 Uya kugweba phakathi kwezizwe ezininzi, ohlwaye iintlanga ezinamandla, ade ase kude; ziwakhande, amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zokuthena imidiliya. Uhlanga aluyi kuphakamisela kuhlanga ikrele lalo, bangabi safunda ukulwa.
4:4b.MIC.004.004 Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo; kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.
4:5b.MIC.004.005 Kuba zonke izizwe zihamba, sona eso egameni lothixo waso; thina ke sihamba egameni likaYehova uThixo wethu, ngonaphakade kanaphakade.
4:6b.MIC.004.006 Ngayo loo mini, utsho uYehova, ndiya kubahlanganisa abaqhwalelayo, ndibabuthe abagxothiweyo, nabendibaphethe kakubi;
4:7b.MIC.004.007 ndibenze abaqhwalelayo babe ngamasalela, nabakhweleliselwa kude babe luhlanga olunamandla, uYehova abe ngukumkani kubo entabeni yeZiyon, kususela ngoku kude kuse ephakadeni.
4:8b.MIC.004.008 Wena ke, nqaba ende yomhlambi, nduli yentombi enguZiyon, luya kuza lufikelele kuwe olwangaphambili ulawulo, lokuba bubukumkani bentombi enguYerusalem.
4:9b.MIC.004.009 Ngokunje ukhalelani na ngoku kukhala? Akakho na ukumkani kuwe? Umcebisi wakho ubhubhile na, ukuba ubanjwe nje kukuzibhijabhija, njengozalayo?
4:10b.MIC.004.010 Zibhijabhije, ubhanyalaze njengozalayo, ntombi inguZiyon; ngokuba ngoku uya kuphuma phakathi komzi, uhlale endle, ude uye eBhabheli; uya kuhlangulwa khona; uya kukukhulula khona uYehova esandleni seentshaba zakho.
4:11b.MIC.004.011 Ngoku ke kuhlanganisene iintlanga ezininzi ngawe, zisithi, Mayihlanjelwe, ayibone amehlo ethu iZiyon.
4:12b.MIC.004.012 Ke zona ezi azizazi iingcinga zikaYehova, aziliqondi icebo lakhe; kuba uzibuthile njengezithungu zesanda.
4:13b.MIC.004.013 Suk ume, ubhule, ntombi inguZiyon, kuba uphondo lwakho ndilwenza isinyithi, neempuphu zakho ndizenza ubhedu. Uya kucola iintlanga ezininzi, uyisingele phantsi kuYehova inzuzo yazo embi, ubusingele phantsi kwiNkosi yehlabathi lonke ubutyebi bazo.
5
5:1b.MIC.005.001 Kaloku ngungelanani, ntombi yongungelwano; bayasingqinga, babetha ngentonga esidleleni nakumgwebi wakwaSirayeli.
5:2b.MIC.005.002 Ke wena, Bhetelehem-efrata, umncinane kunokuba ubekho emawakeni akwaYuda, kuya kuphuma kuwe, eze ngenxa yam, oya kuba ngumlawuli kwaSirayeli, oziphumo zakhe zisusela kumandulo, zisusela kwimihla yasephakadeni.
5:3b.MIC.005.003 Ngako oko uya kubanikela kude kube lixesha lokuzala kozalayo, ade abuye amasalela abazalwana bakhe, kunye noonyana bakaSirayeli;
5:4b.MIC.005.004 uya kuma, aluse enamandla kaYehova, enobungangamsha begama likaYehova uThixo wakhe; bahlale; ngokuba ngoku uya kuba mkhulu, ese eziphelweni zehlabathi.
5:5b.MIC.005.005 Woba luxolo lowo. Xa uAsiriya azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo ezingxandeni zethu ezinde, siya kumisela abalusi abasixhenxe, neenkosi zabantu ezisibhozo, zimelane naye.
5:6b.MIC.005.006 Baya kulalusa ilizwe laseAsiriya ngekrele, nelizwe lakwaNimrodi emasangweni alo; asihlangule kuma-Asiriya, xa azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo emideni yethu.
5:7b.MIC.005.007 Amasalela akwaYakobi aya kuba phakathi kwezizwe ezininzi, njengombethe ophuma kuYehova, njengamathontsi emvula ebutyanini; engathembele mntwini, engalindele koonyana babantu.
5:8b.MIC.005.008 Amasalela akwaYakobi oba sezintlangeni, phakathi kwezizwe ezininzi, njengengonyama phakathi kweenyamakazi zehlathi; njengengonyama entsha phakathi kwemihlambi yeegusha, yona ithi, ingacanda kuzo, isuke inyhashe, iqwenge, kungabikho mhlanguli.
5:9b.MIC.005.009 Masiphakame isandla sakho, sibe phezu kwababandezeli bakho, zinqunyulwe zonke iintshaba zakho.
5:10b.MIC.005.010 Kothi ngaloo mini, utsho uYehova, ndiwanqumle amahashe akho, angabikho phakathi kwakho, ndizitshabalalise iinqwelo zakho zokulwa.
5:11b.MIC.005.011 Ndoyinqumla imizi yelizwe lakowenu, ndizigungxule zonke iinqaba zakho;
5:12b.MIC.005.012 ndibanqamle abakhafuli, bangabikho esandleni sakho; amatola angabikho kuwe.
5:13b.MIC.005.013 Ndiya kuyinqumla imifanekiso yakho eqingqiweyo, nezimiso zakho zamatye, zingabikho phakathi kwakho; ungabi saqubuda kumsebenzi wezandla zakho.
5:14b.MIC.005.014 Ndobanyothula ooAshera bakho, bangabikho phakathi kwakho; ndiyitshabalalise imizi yakho.
5:15b.MIC.005.015 Ndiya kuphindezela ndinomsindo, ndishushu ezintlangeni ezingevayo.
6
6:1b.MIC.006.001 Khanive akuthethayo uYehova; uthi, Suk ume, ubambanene entaba, iinduli zilive ilizwi lakho.
6:2b.MIC.006.002 Yivani, zintaba, ukubambana kukaYehova, nani zimakade, ziseko zehlabathi; kuba uYehova ubambene nabantu bakhe, uya kuphikisana namaSirayeli.
6:3b.MIC.006.003 Bantu bam, ndenze ntoni na kuni? Ndinidinise ngantoni na? Ndiphenduleni.
6:4b.MIC.006.004 Ngokuba ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhulula endlwini yamakhoboka, ndathuma phambi kwenu ooMoses, noAron, noMiriyam.
6:5b.MIC.006.005 Bantu bam, khanikukhumbule ukucebisa kukaBhalaki ukumkani wakwaMowabhi, nokuphendula kukaBhileham unyana kaBhehori, ethabathela eShitim, wada wesa eGiligali, ukuze niyazi imisebenzi kaYehova yobulungisa.
6:6b.MIC.006.006 Ndiya kumkhawulela uYehova ndinantoni na? Ndiye kuzigoba na kuThixo ophezulu? Ndiya kumkhawulela ndinamadini anyukayo na, ndinamathole amnyaka mnye na?
6:7b.MIC.006.007 Wokholiswa na uYehova ngamawaka eenkunzi zezimvu, ngamawaka alishumi emilambo yeoli? Ndorhola owamazibulo na ngenxa yesikreqo sam, isiqhamo somzimba wam na ngenxa yesono somphefumlo wam?
6:8b.MIC.006.008 Uxelelwe, mntundini, okulungileyo: akubizayo uYehova kuwe, kukuthi wenze okusesikweni, uthande inceba, uhambe noThixo wakho ngokuthozamileyo.
6:9b.MIC.006.009 Izwi likaYehova libhekisa kuwo umzi ukubiza, igama lakho liyayibona eyona nto iyiyo. Yiveni intonga, nalowo uyiyalelayo.
6:10b.MIC.006.010 Busekho na ubuncwane bokungendawo endlwini yongendawo, ne-efa edlekileyo, ebhavunyelweyo?
6:11b.MIC.006.011 Ndoqaqamba na ndinesikali sokungendawo, ndinengxowa yamatye enkohliso?
6:12b.MIC.006.012 Kuba izityebi zakhona zizele lugonyamelo, nabemi bakhona bathethe ubuxoki, nolwimi lwabo lube lunenkohliso emlonyeni wabo.
6:13b.MIC.006.013 Nam ke ndikuxabele ngokubulalayo, ndikuphanzisile ngenxa yezono zakho.
6:14b.MIC.006.014 Wena uya kudla, ungahluthi, uhlale unephango; usabise, ungasindisi; nokusindileyo ndikunikele ekreleni.
6:15b.MIC.006.015 Wena uya kuhlwayela, ungavuni; wena uya kuxovula umnquma, ungazithambisi ngeoli; uxovule iwayini entsha, ungaseli wayini.
6:16b.MIC.006.016 Bazigcinela imimiselo kaOmri, nezenzo zonke zendlu ka-Ahabhi, nisuke nihambe ngamacebo abo; ukuze ndinenze nibe ngummangaliso, nabemi bayo babe ngumsondlo; ngoko niya kuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.
7
7:1b.MIC.007.001 Athi ke mna! Kuba ndisuke ndaba njengokuhlanganiswa kweziqhamo zasehlotyeni, njengokubhikicwa kweediliya; akukho sihloko sakudliwa; akukho khiwane liqalelayo, linqwenelwayo ngumphefumlo wam.
7:2b.MIC.007.002 Udakile owenceba, akabakho ehlabathini; akasekho nothe tye phakathi koluntu; bonke bephela balalela igazi, elowo uzingela umzalwana wakhe ngomnatha.
7:3b.MIC.007.003 Izandla zabo zozibini zisentweni embi ukuba ziyifeze; uthi umthetheli acele ngegunya, umgwebi enzele umvuzo; omkhulu yena uthetha ububi bomphefumlo wakhe; benjenjalo ke ukuyiphotha.
7:4b.MIC.007.004 Olungileyo kubo unjengomtholo, othe tye ugqithisele nakuthango lweminga; iyeza imini yababoniseli bakho, yokuvelelwa kwakho, kubekho ngoku ukudideka kwabo.
7:5b.MIC.007.005 Musani ukukholwa nguwenu, ningakholosi ngekholwane; nakolele esifubeni sakho, zigcine iingcango zomlomo wakho.
7:6b.MIC.007.006 Ngokuba unyana umenza isidenge uyise, intombi isukela phezulu kunina, umolokazana kuninazala; iintshaba zomntu ngabantu bendlu yakhe.
7:7b.MIC.007.007 Mna ke ndiya kuqwalasela kuYehova; ndiya kulindela kuThixo wokusindiswa kwam; uya kundiva uThixo wam.
7:8b.MIC.007.008 Musa ukundivuyelela, lutshaba lwam; kuba, ndiwile nje, ndiya kubuya ndivuke; kuba, ndihleli emnyameni nje, uYehova uya kuba kukukhanya kum.
7:9b.MIC.007.009 Ukujala kukaYehova ndiya kukuthwala, kuba ndonile kuye, ade andithethelele etyaleni lam, andilungisele; uya kundikhuphela ekukhanyeni; ndiya kububona ubulungisa bakhe.
7:10b.MIC.007.010 Ke utshaba lwam luya kubona, lugutyungelwe kukudana, obe lusithi kum, Uphi na uYehova, uThixo wakho? Amehlo am aya kulubona; kungoku luya kunyathelwa njengodaka lwezitrato.
7:11b.MIC.007.011 Iyeza imini yokwakhiwa kweendonga zakho; ngaloo mini uya kuba kude ummiselo.
7:12b.MIC.007.012 Ngaloo mini boza kuwe, bevela eAsiriya nasemizini yaseYiputa, bethabathela eYiputa, bade base kuwo uMlambo; bethabathela elwandle, base elwandle; bethabathela entabeni base entabeni.
7:13b.MIC.007.013 Kuya kuba senkangala elizweni, ngenxa yabemi balo, ngenxa yeziqhamo zeentlondi zabo.
7:14b.MIC.007.014 Yalusa abantu bakho ngentonga yakho, iigusha zelifa lakho, ezihleli zodwa, ehlathini phakathi kweKarmele; mazidle eBhashan nakwelaseGiliyadi, ngokweemini zasephakadeni.
7:15b.MIC.007.015 Ngokweemini zokuphuma kwakho ezweni laseYiputa, ndiya kubabonisa imisebenzi ebalulekileyo.
7:16b.MIC.007.016 Iintlanga ziya kubona, zibudanele ubugorha bazo bonke; ziya kubeka isandla emlonyeni, iindlebe zazo ziya kuba zizithulu.
7:17b.MIC.007.017 Ziya kukhotha uthuli njengenyoka, njengezinambuzane zehlabathi; ziya kuphuma zigungqa ekuvingcelweni kwazo; ziya kuya zinkwantya kuYehova uThixo wethu, zoyike phambi kwakho.
7:18b.MIC.007.018 Ngubani na onguThixo onjengawe, oxolela ubugwenxa, adlule esikreqweni samasalela elifa lakhe? Akawugcini unaphakade umsindo wakhe; kuba yena uthanda ukwenza inceba.
7:19b.MIC.007.019 Wobuya abe nemfesane kuthi, abunyathelele phantsi ubugwenxa bethu; woziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo.
7:20b.MIC.007.020 Uya kumnika uYakobi inyaniso, umnike uAbraham inceba, owabafungela yona oobawo kususela kwimihla yamandulo.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Micah (Xhosa). Micah (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3D6-A