Obadiah (Xhosa)

Obadiah (Xhosa)

1

1:1b.OBA.001.001 Umbono kaObhadiya. Itshilo iNkosi uYehova ngokusingisele kwelakwaEdom, ukuthi, Sive udaba oluvela kuYehova, kuthunywe isigidimi ezintlangeni sokuthi, Suka nime, sisukele phezulu kulo, silwe nalo.

1:2b.OBA.001.002 Yabonani, ndikwenze wamncinane ezintlangeni, udelekile kakhulu.

1:3b.OBA.001.003 Ukukhukhumala kwentliziyo yakho kukulukuhlile, wena uhleliyo emfanteni wengxondorha, okhaya liphezulu, othi entliziyweni yakhe, Ngubani na oya kundihlisela ehlabathini?

1:4b.OBA.001.004 Ukuba uthe wakhela phezulu njengexhalanga, nokuba ithe indlu yakho yabekwa phakathi kweenkwenkwezi, ndokuhlisa nalapho; utsho uYehova.

1:5b.OBA.001.005 Ukuba amasela ebethe eza kuwe, ukuba amanyangaza ebethe eza ebusuku (hayi, ukunqunyulwa kwakho!), ebengayi kuba anele na? Ukuba babethe beza kuwe abavuni beediliya, babengayi kushiya okungabhikicwayo na?

1:6b.OBA.001.006 Hayi, ukuphengululeka kwezinto zakwaEsawu! Hayi ukukhanukwa kwezinto zakhe eziqhushekiweyo!

1:7b.OBA.001.007 Onke amadoda abenqophisene nawe akukhaphile, ada esa emdeni; akulukuhlile, akweyisile amadoda abexolelene nawe. Isonka sakho asenze inxeba okulalwa ngalo, phantsi kwakho. Akukho kuqonda kuye.

1:8b.OBA.001.008 Andiyi kuthi na ngaloo mini, utsho uYehova, ndizitshabalalise izilumko kwaEdom, neengqondi ezintabeni zakwaEsawu?

1:9b.OBA.001.009 Aya kuqhiphuka umbilini amagorha akho, Teman, ukuze banqanyulwe bonke ezintabeni zakwaEsawu ngokubulawa.

1:10b.OBA.001.010 Ngenxa yokumgonyamela kwakho umninawa wakho uYakobi, kuya kukugubungela ukudana, unqanyulwe ngonaphakade.

1:11b.OBA.001.011 Ngemini owabumi malunga naye, mini abasemzini bathimba ubutyebi bakhe, abolunye uhlanga beza emasangweni akhe, bayenzela amaqashiso iYerusalem: nawe wawunjengomnye wabo.

1:12b.OBA.001.012 Musa ukukhangela kwimini yomninawa wakho ngemini yeshwangusha lakhe, ungabavuyeleli oonyana bakaYuda ngemini yenkxwaleko yabo; ungasineki ngemini yembandezelo.

1:13b.OBA.001.013 Musa ukungena esangweni labantu bam ngemini yeshwangusha labo, ungakhangeli nawe ebubini babo ngemini yeshwangusha labo, ungasi sandla ebutyebini babo ngemini yeshwangusha labo.

1:14b.OBA.001.014 Musa ukuma ekwahlukaneni kweendlela, ukuze unqumle abasabayo bakubo; ungabanikeli abaseleyo bakubo ngemini yembandezelo.

1:15b.OBA.001.015 Ngokuba isondele imini kaYehova kuzo zonke iintlanga. Njengoko wenze ngako, kuya kwenjiwa njalo kuwe; okwenzileyo kuya kubuyela entlokweni yakho.

1:16b.OBA.001.016 Ngokuba njengoko nisele ngako entabeni yam engcwele, ziya kuhlala zisela ngokunjalo zonke iintlanga, zisele zibizele, zibe njengabangabangakho.

1:17b.OBA.001.017 Ke, entabeni yeZiyon kuya kubakho okusindileyo, kube yingcwele; indlu kaYakobi izihluthe iindawo eyazihluthwayo.

1:18b.OBA.001.018 Indlu kaYakobi iya kuba ngumlilo, nendlu kaYosefu ibe lilangatye; indlu kaEsawu ibe ziindiza, batshise phakathi kwabo, babadle, kungabikho usalayo wasendlwini kaEsawu; ngokuba uYehova uthethile.

1:19b.OBA.001.019 Abakwelasezantsi bozithimba iintaba zakwaEsawu; nabasezithabazini bahluthe amaFilisti; bahluthe isisimi sakwaEfrayim, nesisimi sakwaSamari; uBhenjamin ahluthe elaseGiliyadi.

1:20b.OBA.001.020 Abathinjwa bakule mpi yonyana bakaSirayeli baya kubahlutha abangamaKanan, bade base eTsarefa, abathinjwa baseYerusalem abaseSefaradi bahluthe imizi yelasezantsi.

1:21b.OBA.001.021 Konyuka abasindisi entabeni yeZiyon, ukuze bazigwebe iintaba zakwaEsawu, ubukumkani bube bobu kaYehova.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Obadiah (Xhosa). Obadiah (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3D0-0