Amos (Xhosa)

Amos (Xhosa)

1

1:1b.AMO.001.001 Amazwi ka-Amosi, obengowakubo abalusi baseTekowa, awawabonayo ngokusingisele kwaSirayeli, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaYuda, ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi konyikimo.

1:2b.AMO.001.002 Wathi: UYehova uyabharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem, amakriwa abalusi enze isijwili, incopho yeKarmele yome.

1:3b.AMO.001.003 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeDamasko, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokuba bambhulayo uGiliyadi ngezibhulo zesinyithi:

1:4b.AMO.001.004 ndiya kuphosa umlilo endlwini kaHazayeli, utshise iingxande ezinde zikaBhen-hadade.

1:5b.AMO.001.005 Ndowaphula umvalo weDamasko, ndinqumle ummi wasesihlanjeni seAven, nophethe intonga yobukumkani eBhete-eden; bathinjwe abantu bakwa-Aram, baye eKire; utsho uYehova.

1:6b.AMO.001.006 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeGaza, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokuthimba kwabo abathinjwa ngokuzeleyo, ukuze babanikele kuEdom:

1:7b.AMO.001.007 ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweGaza, utshise iingxande zayo ezinde.

1:8b.AMO.001.008 Ndomnqumla omiyo eAshdode, nophethe intonga yobukumkani eAshkelon; ndisibuyisele isandla sam phezu kwe-Ekron, atshabalale amasalela amaFilisti; itsho iNkosi uYehova.

1:9b.AMO.001.009 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeTire, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokubanikela kwabo abathinjwa bephelele kuEdom, abawukhumbula umnqophiso wobuzalwana:

1:10b.AMO.001.010 ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweTire, utshise iingxande zayo ezinde.

1:11b.AMO.001.011 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaEdom, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokumsukelisa kwakhe umzalwana wakhe ngekrele, eyilahlile imfesane yakhe, umsindo wakhe uhlala uqwenga, emana egcine ukuphuphuma komsindo wakhe:

1:12b.AMO.001.012 ndiya kuthumela umlilo kwaTeman, utshise iingxande ezinde zaseBhotsera.

1:13b.AMO.001.013 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zoonyana baka-Amon, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto— ngenxa yokuqangqulula kwabo abamithiyo baseGiliyadi, ukuze bandise umda wabo:

1:14b.AMO.001.014 ndiya kubasa umlilo eludongeni lweRabha, utshise iingxande zayo ezinde, kuhlatywa umkhosi ngemini yokulwa, kukho umoya ovuthuzayo ngemini yesaqhwithi.

1:15b.AMO.001.015 Uya kuthinjwa emke ukumkani wabo, yena nabathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova.

2

2:1b.AMO.002.001 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaMowabhi, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto— ngenxa yokuwatshisa kwakhe amathambo ookumkani bakwaEdom, aba yikalika:

2:2b.AMO.002.002 ndiya kuthumela umlilo kwaMowabhi, utshise iingxande ezinde zeKeriyoti, afe uMowabhi, kuphithizelwa, kuhlatywa umkhosi, kuvuthelwa izigodlo.

2:3b.AMO.002.003 Ndomnqumla umgwebi phakathi kwakhe, ndibabulale bonke abathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova.

2:4b.AMO.002.004 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaYuda, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokuwucekisa kwabo umyalelo kaYehova, abayigcina imimiselo yakhe; amanga abo, ababelandela wona ooyise, abandwendwisa:

2:5b.AMO.002.005 ndiya kuthumela umlilo kwaYuda, utshise iingxande ezinde zeYerusalem.

2:6b.AMO.002.006 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaSirayeli, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto —ngenxa yokuba bathengisa ilungisa ngesilivere, bathengisa ihlwempu ngeembadada ezimbini;

2:7b.AMO.002.007 bona abo bazondayo ukuba intloko yezisweli ibe nothuli lomhlaba, bayijike indlela yabalulamileyo; umntu noyise baya ntombini-nye, ukuze balihlambele igama lam elingcwele;

2:8b.AMO.002.008 banaba phezu kweengubo ezisisibambiso ngasezibingelelweni zonke, basela iwayini yabahlawulisiweyo endlwini yothixo wabo.

2:9b.AMO.002.009 Kanti mna ndamtshabalalisa ebusweni babo umAmori, obude bunjengobude bemisedare, obeliqele njengemioki; ndasitshabalalisa isiqhamo sakhe ngaphezulu, neengcambu zakhe ngaphantsi.

2:10b.AMO.002.010 Ke mna ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhokela entlango iminyaka emashumi mane, ukuze nilihluthe ilizwe lomAmori.

2:11b.AMO.002.011 Ndavelisa koonyana benu abokuba ngabaprofeti, nakumadodana enu abokuba ngabazahlulileyo. Hi, akunjalo na, nyana bakaSirayeli? utsho uYehova.

2:12b.AMO.002.012 Ke nisuke nabaseza iwayini abazahlulileyo; abaprofeti nabawisela umthetho wokuthi, Ize ningaprofeti.

2:13b.AMO.002.013 Yabonani, ndiya kunixinzelela phantsi, njengokuba ixinzelelwa phantsi inqwelo ezele zizithungu.

2:14b.AMO.002.014 Wokhohlwa kukusaba onamendu, owomeleleyo angawaqinisi amandla akhe, igorha lingabusindisi ubomi balo.

2:15b.AMO.002.015 Nophethe isaphetha akayi kumisa, nonyawo zinamendu angazisindisi, nokhwele ehasheni angabusindisi ubomi bakhe;

2:16b.AMO.002.016 nontliziyo ikhaliphileyo phakathi kwamagorha asabe eze ngaloo mini; utsho uYehova.

3

3:1b.AMO.003.001 Liveni eli lizwi alithethileyo uYehova ngani, nyana bakaSirayeli, ngayo yonke imizalwane endayinyusayo ezweni laseYiputa, lisithi,

3:2b.AMO.003.002 Ndaze nina nedwa emizalwaneni yonke yehlabathi; ngenxa yoko ndiya kubuvelela kuni ubugwenxa benu bonke.

3:3b.AMO.003.003 Bakha bahambe ndawonye na ababini, bengavani?

3:4b.AMO.003.004 Ikha ibharhule na ingonyama ehlathini, ingenanto iyiqwengayo? Ingonyama entsha ikha igqume na emqolombeni wayo, ingabambanga nto?

3:5b.AMO.003.005 Ikha yeyele na intaka esibatheni emhlabeni, kungekho sango liyithiyeleyo? Wojuba na umgibe emhlabeni, ungabambisanga nokubambisa?

3:6b.AMO.003.006 Khona khe sivuthelwe na isigodlo phakathi komzi, bangothuki abantu? Khe bubekho na ububi phakathi komzi, engabenzanga uYehova?

3:7b.AMO.003.007 Inene, ayikhe yenze into iNkosi uYehova, ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti.

3:8b.AMO.003.008 Ingonyama ibharhule, ngubani na ongoyikiyo? INkosi uYehova ithethile, ngubani na ongayi kuprofeta.

3:9b.AMO.003.009 Memezani ezingxandeni ezinde zaseAshdode, nasezingxandeni ezinde zezwe laseYiputa, nithi, Hlanganisani ezintabeni zelakwaSamari, nibone isaqunge esikhulu esiphakathi kwalo, nabacudisiweyo abasesazulwini salo.

3:10b.AMO.003.010 Kuba abakwazi ukwenza okuthe gca, utsho uYehova, abo bafumba ugonyamelo nobhuqo ezingxandeni zabo ezinde.

3:11b.AMO.003.011 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Umbandezeli uya kuba ngeenxa zonke elizweni; uya kuwathoba amandla akho kuwe, ziphangwe iingxande zakho ezinde.

3:12b.AMO.003.012 Utsho uYehova ukuthi, Njengokuba umalusi ehlangula emlonyeni wengonyama ooxhongo ababini, nokuba sisiqwenga sendlebe, baya kwenjiwa njalo ukuhlangulwa oonyana bakaSirayeli, abahlala kwaSamari phezu kwephundu lesingqengqelo, naphezu kweengubo zomandlalo eziluhlobo lweDamasko.

3:13b.AMO.003.013 Yivani, ningqine kwindlu kaYakobi; itsho iNkosi uYehova, uThixo wemikhosi.

3:14b.AMO.003.014 Kuba, mini ndiya kuzivelela izikreqo zendlu kaSirayeli phezu kwayo, ndiya kuzivelela ezibingelelweni zaseBheteli, zixakaxwe iimpondo zesibingelelo, ziwe emhlabeni.

3:15b.AMO.003.015 Ndoyichitha indlu yasebusika, kunye nendlu yasehlotyeni, zitshabalale izindlu zeempondo zeendlovu, ziphele izindlu ezininzi; utsho uYehova.

4

4:1b.AMO.004.001 Liveni eli lizwi, nina zimazi zaseBhashan, zisezintabeni zakwaSamari, zizicudisayo izisweli, ziwavikivayo amahlwempu, zithi ezinkosini zazo, Zisani sisele.

4:2b.AMO.004.002 INkosi uYehova ifunge ubungcwele bayo, yathi, Yabonani, nizelwa yimihla eniya kuqweqwediswa ngamagwegwe, nabokugqibela kuni ngamaqerhu okubambisa iintlanzi.

4:3b.AMO.004.003 Niya kuphuma ngamathuba okuqhekezwa kodonga, elowo aphume ngelilunge naye, niye kuphoswa eHarmon; utsho uYehova.

4:4b.AMO.004.004 Yiyani eBheteli nikreqe; yiyani eGiligali, nandise ukukreqa; nizise imibingelelo yenu imiso ngemiso, nezishumi zenu kanye ngemihla emithathu;

4:5b.AMO.004.005 niqhumisele umbingelelo wemibulelo ngento enegwele, nimemeze imibingelelo yokuqhutywa yintliziyo; memezani, kuba nithanda njalo, nyana bakaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.

4:6b.AMO.004.006 Kananjalo mna ndininike ubumsulwa bamazinyo emizini yenu yonke, nokusweleka kwesonka ezindaweni zenu zonke; anibuyanga nize kum noko; utsho uYehova.

4:7b.AMO.004.007 Kananjalo mna ndayithintela imvula kuni, zisentathu iinyanga zokuba kuvunwe; ndayinisa komnye umzi, andayinisa komnye; esinye isahlulo somhlaba sanelwa yimvula, esinye isahlulo esinganelwanga satsha;

4:8b.AMO.004.008 imizi emibini, emithathu, ibhadulele kumzi omnye, ukuze isele amanzi ingakholwa; anabuya nize kum noko; utsho uYehova.

4:9b.AMO.004.009 Ndanibetha ngembabala nangexoshomba; imiyezo yenu nezidiliya zenu, nemikhiwane yenu, neminquma yenu emininzi, yadliwa yinkumbi enqunquthayo; anabuya nize kum noko utsho uYehova.

4:10b.AMO.004.010 Ndathumela phakathi kwenu indyikitya yokufa, ngokuya kwaseYiputa, ndawabulala ngekrele amadodana enu, kwanamahashe enu angamaxhoba, ndanyusa ukunuka kweminquba yenu, kweza ezimpumlweni zenu; anabuya nize kum noko; utsho uYehova.

4:11b.AMO.004.011 Ndibabhukuqile abanye benu, njengoko wabhukuqa ngako uThixo iSodom neGomora, naba njengesikhuni esinyothulwe emlilweni; anabuya nize kum noko; utsho uYehova.

4:12b.AMO.004.012 Ngako oko ndiya kwenjenje kuwe, Sirayeli; ngokokuba ndiya kwenjenje ke kuwe, zilungiselele ukuhlangabeza uThixo wakho, Sirayeli.

4:13b.AMO.004.013 Ngokuba, yabona, uloyila iintaba, ulodala umoya, uloxelela umntu into okuyiyo ukuthelekelela kwakhe, ulowenza mnyama isifingo, ulonyathela phezu kwemimango yehlabathi: nguYehova uThixo wemikhosi, igama lakhe.

5

5:1b.AMO.005.001 Liveni eli lizwi ndiliphakamisayo ngani, esi simbonono, ndlu kaSirayeli.

5:2b.AMO.005.002 Iwile, ayisayi kubuya ivuke intombi enguSirayeli; ikhahleleke emhlabeni, akukho uyiphakamisayo,

5:3b.AMO.005.003 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Umzi ophuma unewaka, uya kusala nekhulu; ophuma unekhulu, uya kusala neshumi kwindlu kaSirayeli.

5:4b.AMO.005.004 Ngokuba utsho uYehova kwindlu kaSirayeli, ukuthi, Quqelani kum, niphile;

5:5b.AMO.005.005 musani ukuquqela eBheteli, ningangeni eGiligali, ningaweleli niye eBher-shebha; kuba iGiligali, inene, iya kuthinjwa, neBheteli ibe yinto engeyakonto.

5:6b.AMO.005.006 Quqelani kuYehova, naniya kuphila; hleze ayifikele indlu kaYosefu njengomlilo, utshise, kungabikho uwucimela iBheteli,

5:7b.AMO.005.007 nina abo bajika okusesikweni kube ngumhlonyane, babukhahlele phantsi ubulungisa emhlabeni.

5:8b.AMO.005.008 Quqelani kulowenza isiLimela namaKroza, uloguqula ithunzi lokufa libe ngumso, imini ayenze mnyama, ibe bubusuku; ulobiza amanzi olwandle, awathululele phezu komhlaba: nguYehova igama lakhe.

5:9b.AMO.005.009 Ngulotshangazisa imbuqo phezu koliqele, imbuqo iyifikele inqaba.

5:10b.AMO.005.010 Bayamthiya owohlwayayo esangweni, bamenze isikizi othetha okugqibeleleyo.

5:11b.AMO.005.011 Ngako oko, ngenxa yokusigqusha kwenu isisweli, nithabathe kuso unikelo lwengqolowa, niya kwakha izindlu ngamatye aqingqiweyo, ningahlali kuzo; nityale izidiliya ezinqwenelekayo, ningaseli wayini yazo.

5:12b.AMO.005.012 Kuba ndiyazazi izikreqo zenu ukuba zininzi kwazo, nezono zenu ukuba zikhulu kwazo; nibandezela ilungisa, nisamkele isicengo, nisijike isigwebo samahlwempu esangweni.

5:13b.AMO.005.013 Ngako oko, onengqiqo uthe cwaka ngeli xesha; kuba lixesha elibi eli.

5:14b.AMO.005.014 Funani okulungileyo, ningafuni okubi, ukuze niphile; aze uYehova, uThixo wemikhosi, abe nani, njengoko nitshoyo.

5:15b.AMO.005.015 Thiyani okubi, nithande okulungileyo, nimise okusesikweni esangweni; mhlawumbi uYehova, uThixo wemikhosi, wowababala amasalela kaYosefu.

5:16b.AMO.005.016 Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, iNkosi, ukuthi, Ezindaweni zonke zembutho kukumbambazela; ezitratweni zonke bathi, Yoo! yoo! Babizela umlimi esijwilini, babizela abasaziyo isimema, bathi, Mbambazelani.

5:17b.AMO.005.017 Ezidiliyeni zonke kukumbambazela, ngokuba ndicanda esazulwini sakho; utsho uYehova.

5:18b.AMO.005.018 Yeba ke, nina banqwenela imini kaYehova! Iyintoni na imini kaYehova kuni? Ibubumnyama, ayikukukhanya.

5:19b.AMO.005.019 Injengokuthi umntu abaleke engonyameni, aqubisane nebhere; angene endlwini, abambelele ngesandla eludongeni, inyoka imlume.

5:20b.AMO.005.020 Ayiyi kuba bubumnyama yini na imini kaYehova, ingabi kukukhanya? Ayiyi kuba sisithokothoko, yini na, ingabi nabumhlophe?

5:21b.AMO.005.021 Ndiyithiyile, ndiyayicekisa imithendeleko yenu; andilisezeli ivumba lengqungquthela.

5:22b.AMO.005.022 Ngokuba, xa nithe nandinyusela amadini anyukayo, neminikelo yenu yokudla, akakholeki kum; nombingelelo wenu woxolo wamathole atyetyisiweyo andiwubheki.

5:23b.AMO.005.023 Yisuse kum ingxokozelo yeengoma zakho, nokubetha kwemirhubhe yakho andikuphulaphuli.

5:24b.AMO.005.024 Makugaleleke umgwebo njengamanzi, nobulungisa njengomlambo ongatshiyo.

5:25b.AMO.005.025 Imibingelelo neminikelo yokudla naniyizisa kum yini na entlango, iminyaka emashumi mane, ndlu kaSirayeli?

5:26b.AMO.005.026 Nasuka nathwala umnquba wokumkani wenu, noseko lwemifanekiso yenu, inkwenkwezi yoothixo benu, enazenzelayo.

5:27b.AMO.005.027 Ndiya kuni fudusela kude ke ngaphaya kweDamasko; utsho uYehova; nguThixo wemikhosi igama lakhe.

6

6:1b.AMO.006.001 Yeha ke abatyeshileyo eZiyon, nabakholose ngentaba yakwaSamari; abadumileyo ngamagama kwintlahlela yeentlanga, eza kubo indlu kaSirayeli!

6:2b.AMO.006.002 Welelani eKalene, nibone; nisuke khona niye eHamati enkulu, nihle niye eGati yamaFilisti; ukuba ilungile na loo mizi kunezikumkani; ukuba mikhulu na imida yayo kunemida yenu.

6:3b.AMO.006.003 Nina, baba imini yokubi ikude, basondeza isihlalo sogonyamelo;

6:4b.AMO.006.004 nina, balele ezingqengqelweni zeempondo zeendlovu, banabe emandlalweni yabo, badle amatakane emhlambini, namathole asesitalini;

6:5b.AMO.006.005 nina, baphololoza kukubetha umrhubhe, bazicingela ukwenza izinto zokuvuma njengoDavide;

6:6b.AMO.006.006 nina, baseli bewayini ngezitya zokutshiza zemibingelelo, bazithambise ngentlahlela yeoli, bangahlabeki kukwaphuka kukaYosefu.

6:7b.AMO.006.007 Ngako oko baya kuthinjwa bemke ngoku, kwasentloko kubathinjwa, iphele ingxobotshane yabanabileyo.

6:8b.AMO.006.008 INkosi uYehova izifungile, utsho uYehova, uThixo wemikhosi; yathi, Lisikizi kum iqhayiya likaYakobi, ndizithiyile iingxande zakhe ezinde; ngako oko ndowunikela umzi nenzaliseko yawo.

6:9b.AMO.006.009 Kuya kuthi, ukuba kuthe kwasala amadoda alishumi ndlwini-nye, afe.

6:10b.AMO.006.010 Umntu wophakanyiswa nguyisekazi, umngcwabi wakhe, ukuba awakhuphe amathambo akhe endlwini, athi kosentla endlwini, Kusekho na okuwe? athi lowo, Akusekho nto; wothi yena, Thwize; ngokuba alingekhankanywa igama likaYehova.

6:11b.AMO.006.011 Ngokuba, uyabona, uYehova uwisa umthetho, bayibethe indlu enkulu ibe ngamavithi, nendlu encinane ibe ziintanda.

6:12b.AMO.006.012 Amahashe ayabaleka na phezu kweengxondorha? bayalima na khona ngeenkomo? ukuba nikujike nje okusesikweni kube bubuhlungu, nesiqhamo sobulungisa sibe ngumhlonyane;

6:13b.AMO.006.013 nina bavuyela okungelutho; bathi, Sizenzela iimpondo ngawethu amandla.

6:14b.AMO.006.014 Ke yabonani, ndinivusela uhlanga, ndlu kaSirayeli; utsho uYehova, uThixo wemikhosi; luya kunixina, luthabathele ekuyiweni eHamati, luse esihlanjeni seArabha.

7

7:1b.AMO.007.001 Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Yabona, idala imiqikela yeenkumbi ekuqalekeni kokuhluma kwesihlabane sotyani; naso isihlabane eso, emva kokusikelwa kokumkani ingca.

7:2b.AMO.007.002 Kwathi, yakugqiba ukuyidla imifuno yelizwe, ndathi mna, Nkosi Yehova, khawuxolele; wothini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena.

7:3b.AMO.007.003 Wazohlwaya uYehova ngenxa yoko: Oko akuyi kubakho; watsho uYehova.

7:4b.AMO.007.004 Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Nantso iNkosi uYehova ibiza umlilo, ukuba yohlwaye ngawo; wawagqiba amanzi amaninzi enzonzobila, wasitshisa isahlulo sehlabathi.

7:5b.AMO.007.005 Ndathi, Nkosi Yehova, khawuyeke; wothini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena.

7:6b.AMO.007.006 Wazohlwaya uYehova ngenxa yoko: Nako oko akuyi kubakho; itsho iNkosi uYehova.

7:7b.AMO.007.007 Yenjenje ukundibonisa: Nantso iNkosi imi eludongeni olumpuluswa, iphethe ngesandla ilothe yokulungelelanisa.

7:8b.AMO.007.008 UYehova wathi kum, Ubona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ilothe yokulungelelanisa. Yathi iNkosi, Yabona, ndibeka ilothe esazulwini sabantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo.

7:9b.AMO.007.009 Ziya kuchithwa iziganga zakwaIsake, zibengamanxuwa iingcwele zakwaSirayeli, ndisukele phezulu kwindlu kaYarobheham ngekrele.

7:10b.AMO.007.010 UAmatsiya, umbingeleli waseBheteli, wathumela kuYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, esithi, Ukucebile uAmosi esazulwini sendlu kaSirayeli; ilizwe alinakuwanyamezela onke amazwi akhe.

7:11b.AMO.007.011 Ngokuba uAmosi utsho ukuthi, Uya kufa likrele uYarobheham, amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo.

7:12b.AMO.007.012 Wathi uAmatsiya kuAmosi, Mboni, hamba, urhole uye ezweni lakwaYuda, udle khona isonka sakho, uprofete khona;

7:13b.AMO.007.013 kodwa uze ungabi saphinda uprofete eBheteli, kuba yingcwele yokumkani khona, yindlu yakomkhulu leyo.

7:14b.AMO.007.014 Waphendula uAmosi, wathi kuAmatsiya, Andimprofeti, andinyana wamprofeti; ndingumalusi weenkomo, ndingumbuthi weziqhamo zomthombe.

7:15b.AMO.007.015 Kuba uYehova wandithabatha ndisalusa umhlambi, uYehova wathi kum, Yiya uprofete kubantu bam amaSirayeli.

7:16b.AMO.007.016 Ngoko ke live ilizwi likaYehova. Uthi wena, Akuyi kuprofeta kumaSirayeli, akuyi kuwisa ntetho kwindlu kaIsake.

7:17b.AMO.007.017 Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Umfazi wakho uya kuhenyuza phakathi komzi, bawe likrele oonyana bakho neentombi zakho; umhlaba wakho wabiwe ngolutya, ke wena ufele emhlabeni oyinqambi; amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo.

8

8:1b.AMO.008.001 Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Nantso ingobozi ineziqhamo zasehlotyeni.

8:2b.AMO.008.002 Yathi kum, Ubona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ingobozi, ineziqhamo zasehlotyeni. Wathi uYehova kum, Isiphelo sibafikele abantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo.

8:3b.AMO.008.003 Ziya kuba kukubhomboloza iingoma zetempile ngaloo mini; itsho iNkosi uYehova. Zininzi izidumbu; uziqungquluzisile ezindaweni zonke; thwize!

8:4b.AMO.008.004 Yivani oku, nina bawazondayo amahlwempu, ukuba nibaphelise abaziintsizana belizwe, nisithi,

8:5b.AMO.008.005 Kuya kugqitha nini na ukuthwasa kwenyanga, sithengise ngengqolowa? Iya kugqitha nini na isabatha, sivule izisele zengqolowa, ukuze sinciphise iefa, sikhulise ishekele, sigqwethe isikali, sibe sesokukhohlisa?

8:6b.AMO.008.006 ukuze sizithenge izisweli ngesilivere, namahlwempu ngeembadada ezimbini, sithengise ngomdlungu wengqolowa?

8:7b.AMO.008.007 Ulifungile uYehova iqhayiya likaYakobi, esithi, Inyaniso, andiyi kuzilibala naphakade izenzo zabo zonke.

8:8b.AMO.008.008 Aliyi kugungqa na ngenxa yoku ilizwe, benze isijwili bonke abemiyo kulo? aliyi kunyuka na lonke liphela njengoMnayile, lisuke amadlu, liwuthe njengoMnayile waseYiputa?

8:9b.AMO.008.009 Kothi ngaloo mini, itsho iNkosi uYehova, ndilitshonise ilanga emini enkulu, ndenze ubumnyama ehlabathini ngemini elisileyo.

8:10b.AMO.008.010 Ndiya kuyijika imithendeleko yenu ibe sisijwili, neengoma zenu zonke zibe sisimbonono; ndinxibe ezimnyama zokuzila ezinqeni zonke; ndichebe zonke iintloko, ndikwenze konke oko, kube njengesijwili esenzelwa umntwana okuphela kwamzeleyo, nokuphela kwako kube njengomhla okrakra.

8:11b.AMO.008.011 Yabonani, kuza imihla, itsho iNkosi uYehova, endiya kuthumela ukulamba kulo ilizwe, kungabi kuko ukulambela isonka, kungabi kuko ukunxanela amanzi; kube kukulambela ukuva amazwi kaYehova.

8:12b.AMO.008.012 Baya kubhadula bethabathela kolunye ulwandle, base kolunye ulwandle; bethabathela entla, base empumalanga; betyhutyha, befuna ilizwi likaYehova, bangalifumani.

8:13b.AMO.008.013 Ngaloo mini uya kuwa isiduli umthinjana omhle nomlisela, linxano.

8:14b.AMO.008.014 Bona abo bafunga ityala lakwaSamari; bathi, Ehleli nje uThixo wakho, Dan; bathi, Ihleli nje indlela yaseBher-shebha: bona baya kuwa, bangabi savuka.

9

9:1b.AMO.009.001 Ndayibona iNkosi imi ngasesibingeleweni. Yathi, Zibethe iinqanam, inyikime imigubasi yomnyango, uziqobe ezo zinto, ziwe entlokweni yabo bonke bephela, ndibabulale abokugqibela babo ngekrele. Osabayo kubo akasayi kusinda, angasindi nokuzisindisa kubo.

9:2b.AMO.009.002 Ukuba bathe bagqobhozela elabafileyo, sobathabatha nakhona isandla sam; nokuba bathe benyuka baya ezulwini, ndobahlisa nakhona.

9:3b.AMO.009.003 Nokuba bathe bazimela encotsheni yeKarmele, ndofuna, ndibathabathe nalapho; nokuba bathe bazisithelisa phambi kwamehlo am emazantsi olwandle, ndoyiwisela umthetho nalapho inyoka, ibalume.

9:4b.AMO.009.004 Nokuba bathe bathinjwa phambi kweentshaba zabo, ndoliwisela umthetho nalapho ikrele, libabulale, ndiwamise kubo amehlo am, ukuba kube kubi, kungalungi.

9:5b.AMO.009.005 INkosi uYehova wemikhosi ngulophatha ilizwe, linyibilike, benze isijwili bonke abemiyo kulo; linyuke lonke liphela njengoMnayile, libuye liwuthe njengoMnayile waseYiputa;

9:6b.AMO.009.006 ngulowakhela emazulwini amagumbi akhe aphezulu, nophahla lwawo alusekele phezu kwehlabathi; ngulobiza amanzi olwandle, awathululele phezu kwehlabathi: nguYehova igama lakhe.

9:7b.AMO.009.007 Aninjengoonyana bamaKushi na kum, nina nyana bakaSirayeli? utsho uYehova. Andiwanyusanga na amaSirayeli ezweni laseYiputa, amaFilisti eKafetori, ama-Aram eKire?

9:8b.AMO.009.008 Yabonani, amehlo eNkosi uYehova asebukumkanini obonayo, ndibutshabalalise, bungabikho phezu komhlaba; kodwa andiyi kuyitshabalalisa iphele indlu kaYakobi; utsho uYehova.

9:9b.AMO.009.009 Ngokuba, yabonani, ndiwisa umthetho, ndiyihlungule indlu kaSirayeli ezintlangeni zonke, njengoko kuhlungulwa ingqolowa ngesihlungulo, kungawi nokhozo emhlabeni.

9:10b.AMO.009.010 Baya kufa ngekrele bonke aboni babantu bam; abo bathi, Abuyi kusifumana, abuyi kusithintela ububi.

9:11b.AMO.009.011 Ngaloo mini ndiya kuwuvusa umnquba kaDavide, lowo uwileyo, ndizivingce iintanda zawo, ndizivuse iindawo zawo ezigungxulweyo, ndiwakhe ube njengokwemihla yamandulo;

9:12b.AMO.009.012 ukuze bawathimbe amasalela akwaEdom, neentlanga zonke, ezibizwa ngegama lam; utsho uYehova okwenzayo oku.

9:13b.AMO.009.013 Yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, aya kuthi afumanane umlimi nomvuni, umxovuli weediliya afumanane nomhlwayeli wembewu; iintaba zivuze incindi yeediliya, neenduli zonke zinyibilike.

9:14b.AMO.009.014 Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli, bayakhe imizi engamanxuwa, bayihlale, batyale izidiliya, basele iwayini yazo, benze imiyezo, badle iziqhamo zayo.

9:15b.AMO.009.015 Ndobatyala emhlabeni wabo, bangabi sanyothulwa emhlabeni wabo endabanikayo; utsho uYehova uThixo wakho.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Amos (Xhosa). Amos (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3CD-5