Joel (Xhosa)

Joel (Xhosa)

1

1:1b.JOE.001.001 Ilizwi likaYehova elafika kuYoweli, unyana kaPetuweli.

1:2b.JOE.001.002 Yivani oku, nina madoda makhulu, nibeke iindlebe, nonke bemi belizwe; kwakha kwakho na oku ngemihla yenu, nangemihla yooyihlo?

1:3b.JOE.001.003 Kuxeleni koonyana benu, oonyana benu bakuxele koonyana babo, oonyana babo bakuxele kwisizukulwana esisemva kwabo.

1:4b.JOE.001.004 Okushiywe ngumqikela kudliwe yinkumbi, okushiywe yinkumbi kudliwe ngumkhothululi, okushiywe ngumkhothululi kudliwe ngumnqunquthi.

1:5b.JOE.001.005 Vukani, manxila, nilile; bhombolozani, nonke baseli bewayini, ngenxa yencindi yewayini; kuba inqunyulwe emlonyeni wenu.

1:6b.JOE.001.006 Kuba ezweni lakowethu kunyuke uhlanga olunamandla, olungenakubalwa; amazinyo alo ngamazinyo engonyama, nawemihlathi alo ngawengonyamakazi.

1:7b.JOE.001.007 Luwubhuqile umdiliya wam, lwawuvikiva umkhiwane wam; luwuchuhe kwathi tu, lwawulahla; amasebe awo asuka aba mhlophe.

1:8b.JOE.001.008 Bhomboloza njengentombi ebhinqe ezirhwexayo, ngenxa yendoda yobutsha bayo.

1:9b.JOE.001.009 Unqamkile endlwini kaYehova umnikelo wokudla nothululwayo; benza isijwili ababingeleli, abalungiseleli bakaYehova.

1:10b.JOE.001.010 Abhuqiwe amasimi, umhlaba wenza isijwili; kuba ibhuqiwe ingqolowa, itshile iwayini entsha, ioli yomile.

1:11b.JOE.001.011 Danani, balimi; bhombolozani, basebenzi bezidiliya, ngenxa yengqolowa nangenxa yerhasi; kuba lutshabalele uvuno lwamasimi.

1:12b.JOE.001.012 Umdiliya utshile, umkhiwane untshwenyile, nomrharnate, kwanamasundu nemiapile; yonke imithi yasendle yomile; ewe, iphelile imihlali, imkile koonyana babantu.

1:13b.JOE.001.013 Bhinqani ezirhwexayo, nimbambazele, babingeleli; bhombolozani, balungiseleli besibingelelo; yizani, lalani ngezirhwexayo bonke ubusuku, balungiseleli boThixo wam; kuba indlu yoThixo wam ivinjiwe umnikelo wokudla nothululwayo.

1:14b.JOE.001.014 Ngcwalisani uzilo, memani ingqungquthela, hlanganisani amadoda amakhulu, bonke abemi belizwe, beze endlwini kaYehova uThixo wenu, nikhale kuYehova.

1:15b.JOE.001.015 Hayi ke, le mini! Kuba isondele imini kaYehova, ivela njengembuqo kuSomandla.

1:16b.JOE.001.016 Akunqumke phambi kwamehlo ethu na ukudla, imivuyo nemigcobo endlwini yoThixo wethu?

1:17b.JOE.001.017 Zibolile iinkozo phantsi kwamagada azo, bachithakele oovimba, athi bhuma amaqonga, kuba itshile ingqolowa.

1:18b.JOE.001.018 Hayi, ukuncwina kwempahla enkulu! Ikhohliwe imihlambi yeenkomo, kuba ingenatyani; nemihlambi yempahla emfutshane ibandezelekile.

1:19b.JOE.001.019 Ndikhala kuwe, Yehova; kuba umlilo uwatshisile amakriwa asentlango, nelangatye layirhawula yonke imithi yasendle.

1:20b.JOE.001.020 Kwanempahla enkulu yasendle itsalela kuwe; kuba itshile imijelo yamanzi, umlilo wawatshisa amakriwa asentlango.

2

2:1b.JOE.002.001 Vuthelani isigodlo eZiyon, nihlabe umkhosi entabeni yam engcwele. Mabagungqe bonke abemi belizwe, ngokuba isiza imini kaYehova, kuba isondele:

2:2b.JOE.002.002 imini enobumnyama nesithokothoko, imini enamafu, enamafu amnyama, anjengokuthi qhiphu kokusa phezu kweentaba; abantu abaninzi, abanamandla; akuzanga kube nje naphakade, emva kwabo akusayi kuza kubuye kube nje, kude kuse eminyakeni yezizukulwana ngezizukulwana.

2:3b.JOE.002.003 Phambi kwabo kutshisa umlilo; nasemva kwabo kurhawula ilangatye. Ilizwe linjengomyezo we-Eden phambi kwabo; emva kwabo linjengentlango enkangala, nento esindileyo ayi kubakho kulo.

2:4b.JOE.002.004 Injengokubonakala kwamahashe imbonakalo yabo; njengakhwelwayo, benjenjalo ukubaleka.

2:5b.JOE.002.005 Anjengesithonga seenqwelo zokulwa ezincotsheni zeentaba amagqasi abo; njengesithonga selangatye lomlilo otshisa iindiza; njengabantu abanamandla abakhe uluhlu.

2:6b.JOE.002.006 Ebusweni babo ziyazibhijabhija izizwe; bonke ubuso buba luthuthu.

2:7b.JOE.002.007 Bagidima njengamagorha; banyuka udonga njengamadoda okulwa; bahamba elowo ngendlela yakhe, abaphambaphambi emendweni wabo.

2:8b.JOE.002.008 Abagilani, bahamba elowo ngomendo wakhe; bawa nasezikhalini, bangenzakali.

2:9b.JOE.002.009 Baphithizela emzini; babaleka eludongeni; banyuka ezindlwini; bangena ngeefestile njengesela.

2:10b.JOE.002.010 Phambi kwabo uyagungqa umhlaba; liyanyikima izulu. Lisuke laba mnyama ilanga nenyanga, neenkwenkwezi zibufinyezile ubumhlophe bazo.

2:11b.JOE.002.011 UYehova ukhupha izwi lakhe phambi kwempi yakhe; kuba mkhulu kakhulu umkhosi wakhe; kuba unamandla umenzi welizwi lakhe; kuba inkulu imini kaYehova, yoyikeka kunene; ngubani na onokuyinyamezela?

2:12b.JOE.002.012 Nangoku ke, utsho uYehova ukuthi, Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, nangokuzila, nangokulila, nangokumbambazela;

2:13b.JOE.002.013 nikrazule intliziyo yenu, ingabi ziingubo zenu, nibuyele kuYehova uThixo wenu; kuba unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu, uyazohlwaya ngenxa yobubi.

2:14b.JOE.002.014 Ngubani na owaziyo? mhlawumbi wobuya azohlwaye, ashiye intsikelelo ngasemva kwakhe, umnikelo wokudla nothululwayo kuYehova uThixo wenu.

2:15b.JOE.002.015 Vuthelani isigodlo eZiyon, ngcwalisani uzilo, memani ingqungquthela.

2:16b.JOE.002.016 Hlanganisani abantu, ngcwalisani ibandla, buthani amadoda amakhulu, hlanganisani iintsapho nabanyayo emabeleni; makaphume umyeni egumbini lakhe, umtshakazi esililini sakhe.

2:17b.JOE.002.017 Mabalile ababingeleli, abalungiseleli bakaYehova, phakathi kwevaranda nesibingelelo, bathi, Yiba nenceba, Yehova, ebantwini bakho, ungalinikeli ilifa lakho ekungcikivweni, ukuba iintlanga zizekelise ngabo, yini na ukuba kuthiwe ezizweni, Uphi na uThixo wabo?

2:18b.JOE.002.018 Waba nobukhwele ke uYehova ngelizwe lakhe, waba nofefe ngabantu bakhe.

2:19b.JOE.002.019 Waphendula uYehova, wathi ebantwini bakhe, Yabonani, ndinithumela ingqolowa, newayini entsha, neoli, eniya kwaneliswa yiyo; ndingabi saninikela ukuba nibe sisingcikivo ezintlangeni.

2:20b.JOE.002.020 Ndiya kumkhwelelisela kude kuni owasentla, ndimgxothele ezweni elingumqwebedu, enkangala; umphambili wakhe usinge kulwandle lwasempumalanga, umqosheliso wakhe kulwandle lwasentshonalanga, kunyuke ukunuka kwakhe, kunyuke ukubola kwakhe, kuba eziphakamisile ukwenza izinto ezinkulu.

2:21b.JOE.002.021 Musa ukoyika, hlabathi, gcoba uvuye; kuba uYehova wenza izinto ezinkulu.

2:22b.JOE.002.022 Musani ukoyika, mpahla inkulu yasendle; kuba amakriwa asentlango aphuma uhlaza; kuba umthi uxakatha isiqhamo sawo, umkhiwane nomdiliya unika amandla awo.

2:23b.JOE.002.023 Nani, nyana baseZiyon, gcobani nivuye kuYehova uThixo wenu; kuba uninika umyaleli wokuba kubekho ubulungisa, anihlisele umvumbi, imvula ethambisayo nemvula evuthisayo ekuqaleni.

2:24b.JOE.002.024 Zozala izanda yingqolowa, iphalale yiwayini entsha nayioli imikhombe yokukhongozela.

2:25b.JOE.002.025 Ndonibuyiselela okweminyaka eyadliwa yinkumbi, nangumkhothululi, nangumqikela, nangumnqunquthi, impi yam enkulu endayithumelayo phakathi kwenu.

2:26b.JOE.002.026 Niya kudla nidlile, nihluthe, nilidumise igama likaYehova uThixo wenu, oniphethe ngokubalulekileyo; bangadani abantu bam naphakade;

2:27b.JOE.002.027 nazi ukuba ndiphakathi kwamaSirayeli; ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, akukho wumbi; bangadani abantu bam naphakade.

2:28b.JOE.002.028 Kuya kuthi emveni kokuba njalo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu; amadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha, amadodana enu abone imibono.

2:29b.JOE.002.029 Kwanaphezu kwabakhonzi naphezu kwabakhonzazana ndothulula uMoya wam ngaloo mihla.

2:30b.JOE.002.030 Ndiya kwenza izimanga ezulwini nasehlabathini, igazi nomlilo nemiqulu yomsi.

2:31b.JOE.002.031 Ilanga liya kusuka libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo.

2:32b.JOE.002.032 Bothi bonke abasukuba benqula igama likaYehova, basinde; kuba entabeni yaseZiyon naseYerusalem kuya kubakho abasindileyo, njengoko watshoyo uYehova; naphakathi kwabaseleyo kubekho awobabiza uYehova.

3

3:1b.JOE.003.001 Ngokuba, yabonani, ngayo loo mihla, nangalo elo xesha, ndiya kukubuyisa ngalo ukuthinjwa kukaYuda neYerusalem,

3:2b.JOE.003.002 ndozibutha zonke iintlanga, ndizihlisele entilini yakwaYoshafati; ndimangalelane nazo khona ngenxa yabantu bam, ilifa lam amaSirayeli, ezibathe saa ezintlangeni, zalaba ilizwe lam.

3:3b.JOE.003.003 Abantu bam zibenzele amaqashiso, zavuza ihenyukazi ngenkwenkwe; zathengisa ngentombi ngewayini, zasela.

3:4b.JOE.003.004 Kananjalo niya kundenza ntoni na nina, Tire, nawe, Tsidon, nani, mida yonke yamaFilisti? Niya kundibuyekeza impatho yam na? Niya kundenza ntoni na? Kwakamsinya, ngokukhawulezayo, ndiya kukubuyisela ukuphatha kwenu entlokweni yenu.

3:5b.JOE.003.005 Ekubeni nithabathe isilivere yam negolide yam, izinto zamezintle ezinqwenelekayo, nazisa etempileni yenu;

3:6b.JOE.003.006 nathengisa ngoonyana bakaYuda nangoonyana baseYerusalem koonyana bakaYavan, ukuze nibakhwelelisele kude emdeni wabo;

3:7b.JOE.003.007 yabonani, ndiyabaxhoxha endaweni enathengisa ngabo kuyo, ndikubuyisele ukuphatha kwenu entlokweni yenu.

3:8b.JOE.003.008 Ndothengisa ngoonyana benu nangeentombi zenu esandleni soonyana bakaYuda, bathengise ngabo kumaShebha, kuhlanga olukude; kuba uthethile uYehova.

3:9b.JOE.003.009 Memezani oku ezintlangeni, ngcwalisani imfazwe; xhoxhani amagorha; makafike enyuke onke amadoda okulwa.

3:10b.JOE.003.010 Khandani amakhuba enu abe ngamakrele, nezitshetshe zenu zemidiliya zibe zizikhali;

3:11b.JOE.003.011 oswele amandla makathi, Ndiligorha. Khawulezani nize, nonke zintlanga zangeenxa zonke, nibuthelane; wahlisele khona amagorha akho, Yehova.

3:12b.JOE.003.012 Mazixhoxhwe zinyuke iintlanga, ziye entilini yakwaYoshafati; ngokuba ndiya kuhlala phantsi khona, ukuze ndizigwebe zonke iintlanga zangeenxa zonke.

3:13b.JOE.003.013 Fakani irhengqa, kuba ukudla kuvuthiwe; yizani nixovule, ngokuba isixovulelo sewayini sizele, iyaphalala imikhombe yokukhongozela; kuba bukhulu ububi bazo.

3:14b.JOE.003.014 Yimbuthumbuthu, yimbuthumbuthu entilini yesigqibo! Kuba isondele imini kaYehova entilini yesigqibo.

3:15b.JOE.003.015 Ilanga nenyanga zenziwe mnyama, iinkwenkwezi zikufinyezile ukukhanya kwazo.

3:16b.JOE.003.016 UYehova ubharhula eZiyon, ukhupha ilizwi lakhe eYerusalem, linyikime izulu nehlabathi; ke uYehova ulihlathi kubantu bakhe, uligwiba koonyana bakaSirayeli.

3:17b.JOE.003.017 Niya kwazi ke ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, ohleli eZiyon, entabeni yam engcwele; iYerusalem yoba ngcwele, abasemzini bangabi sacanda phakathi kwayo.

3:18b.JOE.003.018 Kuya kuthi ngaloo mini, iintaba zivuze incindi yeediliya, iinduli ziphalale amasi, imijelo yonke yakwaYuda iphalale amanzi; kuphume umthombo endlwini kaYehova, useze isihlambo semingampunzi.

3:19b.JOE.003.019 IYiputa kuya kuba senkangala, nelakwaEdom libe yintlango esenkangala, ngenxa yokugonyamela kwabo oonyana bakaYuda, ekubeni bephalaze igazi elimsulwa ezweni labo.

3:20b.JOE.003.020 Ke uYuda uya kumiwa ngonaphakade, iYerusalem imiwe kwizizukulwana ngezizukulwana.

3:21b.JOE.003.021 Ndiya kulisula igazi labo endandingalisulanga; ngokuba uYehova uhleli eZiyon.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Joel (Xhosa). Joel (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3CA-8