Lamentations (Xhosa)

Lamentations (Xhosa)

1

1:1b.LAM.001.001 Yoo! Uhleli wodwa, umzi obantu baye bebaninzi; Obe umkhulu ezintlangeni Usuke waba njengomhlolokazi; umthethelikazi emazweni Usuke waba ngofakwa uviko.

1:2b.LAM.001.002 Ulila elilile ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe; Akanamthuthuzeli kuzo zonke izithandane zakhe; Onke amakholwane akhe ammenezelele, Aba lutshaba kuye.

1:3b.LAM.001.003 UYuda uye ekuthinjweni, ephuma ezintsizini nasezinkonzweni ezininzi; Yena uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla; Bonke abamsukelayo bamfikele ezingxingongweni.

1:4b.LAM.001.004 Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabaya emithendelekweni; Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina; Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra kuyo.

1:5b.LAM.001.005 Ababandezeli bayo basuka bayintloko; iintshaba zayo zinobunqobo; Ngokuba uYehova uyenze yanosizi ngenxa yokreqo lwayo oluninzi; Abantwana bayo bemkile, bathinjiwe, baqhutywa ngumbandezeli.

1:6b.LAM.001.006 Buphumile entombini enguZiyon bonke ubungangamsha bayo; Abathetheli bayo baba njengamaxhama angafumani dlelo, Ahamba engenamandla phambi komsukeli.

1:7b.LAM.001.007 IYerusalem iyazikhumbula, ngemini yeentsizi zayo neyokudinga kwayo, Zonke izinto zayo ezinqwenelekayo ebinazo kwakwiimini zamandulo, Ekuweni kwabantu bayo esandleni sombandezeli, ingenamncedi; Ababandezeli bayo bayibona, bakuhleka ukucinywa kwayo.

1:8b.LAM.001.008 IYerusalem asikuko nokuba yonile yona; ngenxa yoko yaba lubhorha; Bonke ababeyizukisa bayayicukuceza, ngokuba babone ubuze bayo; Nayo ngokwayo iyancwina, ibuye umva.

1:9b.LAM.001.009 Ubunqambi bayo busezingutyeni zayo ezirhuqayo, ayilikhumbulelanga ikamva layo; Yehla ke ngokubalulekileyo; ayinamthuthuzeli; Ithi, Zikhangele, Yehova, iintsizi zam; ngokuba utshaba luzikhulisile.

1:10b.LAM.001.010 Umbandezeli usolule isandla sakhe phezu kwezinto zayo zonke ezinqwenelekayo; Kuba ibona iintlanga zingene engcweleni yayo, Owawuwise umthetho wena, ukuba zingangeni ebandleni lakho.

1:11b.LAM.001.011 Bonke abantu bayo bayancwina, befuna isonka; Barhole izinto zabo ezinqwenelekayo ngenxa yesonka, ukuze bawubuyise umphefumlo; Bona, Yehova, ukhangele, ukuba ndisuke ndacukucezeka.

1:12b.LAM.001.012 Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela? Bhekani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo, Athe uYehova wandenza lusizi ngemini yokuvutha komsindo wakhe.

1:13b.LAM.001.013 Engaphezulu, uthume umlilo emathanjeni am, wawanyathela; Uzanekele umnatha iinyawo zam, wandibuyisa umva; Undenze inxuwa, yonke imini ndityhafile.

1:14b.LAM.001.014 Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe; Zibhijelene, zenyuka zaba semqaleni wam, zawakhubekisa amandla am; INkosi yam indinikele ezandleni zabo ndingenakumisa kubo.

1:15b.LAM.001.015 INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam; Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am. INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini.

1:16b.LAM.001.016 Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi, Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam; Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile.

1:17b.LAM.001.017 IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli; UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge: IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo.

1:18b.LAM.001.018 Ulilungisa uYehova; ngokuba bendiphikise umlomo wakhe. Khanive, nonke zizwe, niwubone umvandedwa wam; Umthinjana wam namadodana am emke nokuthinjwa.

1:19b.LAM.001.019 Ndibize izithandane zam, zandikhohlisa zona; Ababingeleli bam, namadoda amakhulu akwam, aphume umphefumlo phakathi komzi, Xa abezifunela ukudla, ukuba abuyise imiphefumlo yawo.

1:20b.LAM.001.020 Khangela, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; izibilini zam ziyabila; Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kuphela; Ngaphandle ikrele landihlutha abantwana, ngaphakathi kwakukufa kodwa.

1:21b.LAM.001.021 Bandivile ukuba ndiyancwina; ndathi, Andinamthuthuzeli; Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; zinemihlali, ngokuba oko kwenziwe nguwe. Uyayizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke.

1:22b.LAM.001.022 Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo, Uziphathe njengoko wandiphatha ngako ngenxa yezikreqo zam zonke; Ngokuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam ityhafile.

2

2:1b.LAM.002.001 Yoo! Itheni na iNkosi yam ukuyisibekela kangaka ngomsindo wayo intombi enguZiyon? Isikhuphile ezulwini, yasikhahlela ehlabathini, isihombo sikaSirayeli, Ayasikhumbula isihlalo seenyawo zayo ngemini yomsindo wayo.

2:2b.LAM.002.002 INkosi yam iwaginyile, ayawaconga, onke amakriwa akwaYakobi; Izigungxule ngokuphuphuma komsindo wayo iinqaba ezinkulu zentombi enguYuda; Yazizisa emhlabeni; Ibungcolisile ubukumkani nabathetheli babo.

2:3b.LAM.002.003 Izixakazile ngokuvutha komsindo wayo zonke iimpondo zikaSirayeli; Isibuyise umva isandla sayo sokunene ebusweni botshaba; Yatshisa kwaYakobi njengomlilo olenyayo, odlayo ngeenxa zonke.

2:4b.LAM.002.004 Isityedile isaphetha sayo njengotshaba; imise isandla sayo sokunene, saxelisa esombandezeli, Yazibulala zonke izinto ezinqwenelekayo emehlweni; Ententeni yentombi enguZiyon, ibuphalazile ubushushu bayo njengomlilo.

2:5b.LAM.002.005 INkosi yam isuke yaba njengotshaba; imginyile uSirayeli, Iziginyile zonke iingxande zayo ezinde, izonakalisile iinqaba zayo ezinkulu; Yandisa entombini enguYuda uncwino nokukhala.

2:6b.LAM.002.006 Iyichithile indawo yayo ebiyiweyo njengomyezo; Iyitshabalalisile indawo yayo yentlangano; UYehova wenze walityalwa eZiyon umthendeleko nesabatha; Wabagiba ekubhavumeni komsindo wakhe ukumkani nombingeleli.

2:7b.LAM.002.007 INkosi yam isihlambele isibingelelo sayo, ithe nethe kuyo ingcwele yayo, Izivingcelele esandleni sotshaba iindonga zeengxande zayo ezinde; Baxokozela endlwini kaYehova njengemini yomthendeleko.

2:8b.LAM.002.008 UYehova ucinge ukonakalisa udonga lwentombi enguZiyon; Wolule ulutya lokulinganisela, akasibuyisa isandla sakhe ekuginyeni; Wenza ungqameko lomsele lwaba nesijwili, kwanodonga; zithokombisile kunye ezo zinto.

2:9b.LAM.002.009 Amasango ayo atshonile emhlabeni; uyitshabalalisile, uyaphule imivalo yayo; Ukumkani wayo nabathetheli bayo basezintlangeni, akukho myalelo; Abaprofeti bayo abafumani mbono kuYehova.

2:10b.LAM.002.010 Ahleli emhlabeni ethe cwaka amadoda amakhulu entombi enguZiyon; Azigalele ngomhlaba entloko, abhinqe ezirhwexayo; Uzithobele emhlabeni iintloko zawo umthinjana waseYerusalem.

2:11b.LAM.002.011 Amehlo am aphela ziinyembezi, ziyabila izibilini zam, Isibindi sam siphalalele emhlabeni, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu, Ngokutyhafa kwabantwana, nabasemabeleni, ezitratweni zomzi.

2:12b.LAM.002.012 Bamana ukuthi koonina, Iphi na ingqolowa newayini? Ekutyhafeni kwabo njengabangxwelerhiweyo ezitratweni zomzi, Ekuziphalazeni kwemiphefumlo yabo esifubeni sonina.

2:13b.LAM.002.013 Ndikungqinele, ngantoni na? Ndikufanekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem? Ndikulinganise nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon? Ngokuba kukhulu ngangolwandle ukwaphuka kwakho; ngubani na onokukuphilisa?

2:14b.LAM.002.014 Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu; Ababutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho; Bakubonele imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa.

2:15b.LAM.002.015 Babetha izandla ngawe bonke abadlula ngendlela; Benza umsondlo, bahlunguzele iintloko ngentombi enguYerusalem, besithi, Ngulo mzi na, lo kuthiwa kuphela kwenzwakazi, yimihlali yehlabathi lonke?

2:16b.LAM.002.016 Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo; Zenza umsondlo, zitshixizela amazinyo; zithi, Siyiginyile; Inene, yiyo le imini ebe siyithembile; siyifumene, siyibonile.

2:17b.LAM.002.017 Ukwenzile uYehova abekunkqangiyele; Ulizalisile ilizwi lakhe, abeliwisele umthetho kususela kwiimini zamandulo; Ugungxule, akaconga; Wenze lwakuvuyelela utshaba lwakho, Uphakamise uphondo lwababandezeli bakho.

2:18b.LAM.002.018 Intliziyo yabo ikhala eNkosini yam; Ludonga lwentombi enguZiyon, mazihle iinyembezi njengomlambo imini nobusuku; Musa ukuyeka, malungaphezi ukhozo lweliso lakho.

2:19b.LAM.002.019 Vuka, uhlahlambe ebusuku, ekuqalekeni kwemilindo; Yiphalaze njengamanzi intliziyo yakho ebusweni beNkosi; Ziphakamisele kuyo izandla zakho, ngenxa yomphefumlo wabantwana bakho, Abatyhafileyo kukulamba ekujikeni kwezitrato zonke.

2:20b.LAM.002.020 Bona, Yehova, ukhangele, ngubani na lo wenjenje ukumphatha kakubi? Abafazi bangadla isiqhamo somzimba wabo na? Badle abantwana ababathantamisayo na? Angabulawelwa engcweleni yeNkosi na umbingeleli nomprofeti?

2:21b.LAM.002.021 Balele emhlabeni phandle oyinkwenkwe noyindoda enkulu; Umthinjana wam namadodana am awile likrele; Ubulele ngemini yomsindo wakho, usikile, akwaconga.

2:22b.LAM.002.022 Ukumemile ngokwemini yomthendeleko ukunxunguphala kwam ngeenxa zonke, Akwabakho usindayo, usalayo, ngemini yomsindo kaYehova. Endibathantamisileyo ndabakhulisa, utshaba lwam lubagqibele.

3

3:1b.LAM.003.001 Ndim indoda ebone iintsizi, ngentonga yokuphuphuma komsindo wakhe.

3:2b.LAM.003.002 Undikhokele wandihambisa ebumnyameni, akwaba sekukhanyeni.

3:3b.LAM.003.003 Ubuye wasiguqulela kum ndedwa isandla sakho imini yonke.

3:4b.LAM.003.004 Uyonakalisile inyama yam nolusu lwam; uwaphule amathambo am.

3:5b.LAM.003.005 Undakhele wandirhaqa ngenyongo nendiniso.

3:6b.LAM.003.006 Undibele ezindaweni ezimnyama, njengabafe ngonaphakade.

3:7b.LAM.003.007 Undibiyele ngeenxa zonke, andinakuphuma; uwenze aba nzima amakhamandela am obhedu.

3:8b.LAM.003.008 Noko ndikhalayo, ndizibikayo, uyawuvingcela umthandazo wam.

3:9b.LAM.003.009 Uzibiyele iindlela zam ngamatye aqingqiweyo, uzenze goso iingqushu zam.

3:10b.LAM.003.010 Kum uyibhere elalelayo, uyingonyama esezintsithelweni.

3:11b.LAM.003.011 Uzityekisile iindlela zam, wandidlavula; undenze inxuwa.

3:12b.LAM.003.012 Usigobile isaphetha sakhe, wandimisa ndaba yitekeni yotolo lwakhe.

3:13b.LAM.003.013 Uzise ezintsweni zam iintolo zomphongolo wakhe.

3:14b.LAM.003.014 Ndisuke ndayintlekisa kubantu bonke bakowethu; ndiyingoma yabo imini yonke.

3:15b.LAM.003.015 Undihluthise ngeento ezikrakra, wandiseza ndahlutha umhlonyane.

3:16b.LAM.003.016 Uwaphule ngohlalu amazinyo am; undixinzelele phantsi eluthuthwini.

3:17b.LAM.003.017 Uwuhlambile umphefumlo wam, awaba naluxolo; ndiyilibele into elungileyo.

3:18b.LAM.003.018 Ndathi, aphelile amandla am, nokulinda kwam kuYehova.

3:19b.LAM.003.019 Zikhumbule iintsizi zam, nokutshutshiswa kwam, umhlonyane nenyongo.

3:20b.LAM.003.020 Umphefumlo wam uyazikhumbula unangoku ezo zinto, usibekekile kum.

3:21b.LAM.003.021 Oko ndikunyamekele ngentliziyo: ngenxa yoko ndilindile.

3:22b.LAM.003.022 Kungeenceba zikaYehova le nto singagqityelwanga, ngokuba azipheli iimfesane zakhe.

3:23b.LAM.003.023 Zintsha imiso ngemiso; kukhulu ukuthembeka kwakhe.

3:24b.LAM.003.024 Isabelo sam nguYehova, utsho umphefumlo wam; ngenxa yoko ndilindele kuye.

3:25b.LAM.003.025 UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo.

3:26b.LAM.003.026 Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.

3:27b.LAM.003.027 Kuyilungele indoda ukuba iyithwale idyokhwe kwasebutsheni bayo.

3:28b.LAM.003.028 Mayihlale yodwa ithe cwaka, xa iyithwalisiweyo.

3:29b.LAM.003.029 Mayiwubeke eluthulini umlomo wayo; kungabakho ithemba mhlawumbi.

3:30b.LAM.003.030 Mayisinikele isidlele sayo koyibethayo; mayihluthe yingcikivo.

3:31b.LAM.003.031 Ngokuba iNkosi yam ayiyi kumhlamba umntu ngonaphakade,

3:32b.LAM.003.032 Ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo.

3:33b.LAM.003.033 Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibenze babe nosizi oonyana babantu.

3:34b.LAM.003.034 Ekutyunyuzweni kwababanjiweyo bonke behlabathi phantsi kweenyawo;

3:35b.LAM.003.035 Ekulijikeni ityala lomfo phambi kobuso bOsenyangweni;

3:36b.LAM.003.036 Ekuphenulweni komntu ekubambaneni kwakhe nomnye: iNkosi yam ayiboni na?

3:37b.LAM.003.037 Ngubani na okhe wathetha, kwenzeka, iNkosi yam ingawisanga mthetho?

3:38b.LAM.003.038 Akuphumi okubi nokulungileyo emlonyeni wOsenyangweni na?

3:39b.LAM.003.039 Yini na ukuba umntu akhalaze ephilile? Umfo makakhalaze ngenxa yezono zakhe.

3:40b.LAM.003.040 Masiziphengulule iindlela zethu, sizigocagoce, sibuyele kuYehova.

3:41b.LAM.003.041 Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizise kuThixo emazulwini.

3:42b.LAM.003.042 Thina sikreqile saba neenkani; wena akuxolelanga.

3:43b.LAM.003.043 Uzigqubuthele ngomsindo, wasisukela; ubulele akwaconga.

3:44b.LAM.003.044 Uzigqubuthele ngelifu, ukuze ungaphumeli umthandazo wethu.

3:45b.LAM.003.045 Usenze inkunkuma, imvuthuluka esazulwini sezizwe.

3:46b.LAM.003.046 Zisakhamisele umlomo wazo zonke iintshaba zethu.

3:47b.LAM.003.047 Kokwethu ukunkwantya, nomgongxo, nesibatha, nokutshabalala, nokwaphuka.

3:48b.LAM.003.048 Iliso lam lihla imijelo yamanzi, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu.

3:49b.LAM.003.049 Iliso lam liyatyityizela, aliyeki, alinqamki,

3:50b.LAM.003.050 Ade aqondele abone uYehova, esemazulwini.

3:51b.LAM.003.051 Iliso lam liyawubulala umphefumlo wam, ngenxa yeentombi zonke zomzi wakowethu.

3:52b.LAM.003.052 Zindizingele zandizingela njengentaka iintshaba zam ngelize.

3:53b.LAM.003.053 Zibubhangisile ubomi bam ngokundeyelisela emhadini, zandigibisela ngamatye.

3:54b.LAM.003.054 Amanzi ahambe phezu kwentloko yam, ndathi, Ndinqanyulwe.

3:55b.LAM.003.055 Ndinqule igama lakho, Yehova, kongaphantsi umhadi.

3:56b.LAM.003.056 Izwi lam waliva; musa ukuyifihla indlebe yakho ekubefuzeni kwam, ekuzibikeni kwam.

3:57b.LAM.003.057 Wasondela ngemini yokukunqula kwam, wathi, Musa ukoyika.

3:58b.LAM.003.058 Uwathethile amatyala omphefumlo wam, Nkosi yam; ubukhulule ubomi bam ngokubumisela.

3:59b.LAM.003.059 Ukubonile, Yehova, ukuphenulwa kwam; ligwebe ityala lam.

3:60b.LAM.003.060 Uyibonile yonke impindezelo yabo, uzivile zonke iingcinga zabo ngam.

3:61b.LAM.003.061 Ukuvile ukungcikiva kwabo, Yehova, uzivile zonke iingcinga zabo ngam,

3:62b.LAM.003.062 Umlomo wabo basukela phezulu kum, nezicamango zabo ngam yonke imini.

3:63b.LAM.003.063 Ukuhlala kwabo nokusuka kwabo kubheke; ndiyingoma yabo.

3:64b.LAM.003.064 Babuyisele imbuyekezo, Yehova, ngokwezenzo zezandla zabo.

3:65b.LAM.003.065 Banike ubumfama bentliziyo; intshwabulo yakho mayibe kubo.

3:66b.LAM.003.066 Basukele ngomsindo, ubatshabalalise, bangabikho phantsi kwamazulu kaYehova.

4

4:1b.LAM.004.001 Yoo! Isuke igolide yaba mncumevu; isuke ecikizekileyo, elungileyo, yaba yeyimbi; Asuke aphalazwa amatye engcwele ekujikeni kwezitrato zonke.

4:2b.LAM.004.002 AbeZiyon abanqabileyo, abamelwe yigolide engcwengiweyo, Yoo! Babalelwa ekubeni yimiphanda yodongwe, umsebenzi wezandla zombumbi.

4:3b.LAM.004.003 Kanti neempungutye ziyalirhola ibele, zanyise amathole azo; Ke yona intombi yabantu bakowethu isuke yaba sisijorha, njengenciniba entlango.

4:4b.LAM.004.004 Ulwimi losebeleni lunamathela ekhuhlangubeni lakhe linxano; Abantwana bacela isonka, akukho ubaphulelayo.

4:5b.LAM.004.005 Ababesidla ubuncwane baphanzile ezitratweni; Ababephathwa ngeengubo ezibomvu bawola amazala.

4:6b.LAM.004.006 Bukhulile ubugwenxa bentombi yakowethu ngaphezu kwesono seSodom, Yona yabhukuqwayo ngephanyazo, kungasiwanga sandla kuyo.

4:7b.LAM.004.007 Babeqaqambile ababalulekileyo bayo ngaphezu kwekhephu; baye bemhlophe ngaphezu kwamasi; Babeyingqombela imizimba ngaphezu kwekorale, isibili sabo besinjengesafire;

4:8b.LAM.004.008 Imbonakalo yabo imnyama ngaphezu kocolothi; Abanakaneki ezitratweni; ulusu lwabo lutshele emathanjeni abo; lomile, lwanjengokhuni.

4:9b.LAM.004.009 Baneyhweba ababulewe ngekrele kunababulewe yindlala, Bona baphelayo ngokubulawa kukungabikho kweziqhamo zamasimi.

4:10b.LAM.004.010 Izandla zabafazi abanemfesane zipheke abantwanana babo, Baba kukudla kwabo ekwaphukeni kwentombi yabantu bakowethu.

4:11b.LAM.004.011 Ubuphelelisile ubushushu bakhe uYehova, ukuphalazile ukuvutha komsindo wakhe; Wafaka umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.

4:12b.LAM.004.012 Bebengenakukholwa ookumkani behlabathi, nabemi bonke belimiweyo, Ukuba ubengangenayo umbandezeli notshaba emasangweni aseYerusalem.

4:13b.LAM.004.013 Kungenxa yezono zabaprofeti bayo, nobugwenxa bababingeleli bayo, Abaphalaze igazi lamalungisa phakathi kwayo.

4:14b.LAM.004.014 Baphamzela beziimfama ezitratweni, bedyobhekile ligazi, Bada abantu ababa nakuchukumisa nezambatho zabo.

4:15b.LAM.004.015 Sukani, nantso inqambi! Kwatshiwo ukumenyezwa kubo. Sukani, sukani, musani ukuphatha! Bakusaba, baphamzela nalapho, kwathiwa phakathi kweentlanga, Mabangaphindi baphambukele khona.

4:16b.LAM.004.016 Ubuso bukaYehova bubachithachithile, akasayi kubabheka; Ubuso bababingeleli ababubhekanga, amadoda amakhulu abawababalanga.

4:17b.LAM.004.017 Thina, amehlo ethu ayaphela, ekhangele uncedo olungamampunge; Ekuboniseleni kwethu sibonisela uhlanga olungayi kusisindisa.

4:18b.LAM.004.018 Bazingela amanyathela ethu, ukuze singabi nakuhamba ezitratweni zethu; Kusondele ukuphela kwethu, izalisekile imihla yethu; ewe, kufikile ukuphela kwethu.

4:19b.LAM.004.019 Abasisukelayo banamendu ngaphezu kwamaxhalanga asezulwini; Basisukela ezintabeni ngokushushu, basilalela entlango.

4:20b.LAM.004.020 Umoya wamathatha ethu, umthanjiswa kaYehova, ubanjisiwe emihadini yabo: Lowo besisithi, Siya kuhlala phantsi komthunzi wakhe ezintlangeni.

4:21b.LAM.004.021 Yiba nemihlali uvuye kambe, ntombi yakwaEdom, ihleliyo ezweni lakwaUtse; Iya kudlulela nakuwe indebe; uya kunxila, uzihlube.

4:22b.LAM.004.022 Bugqityiwe ubugwenxa bakho, ntombi inguZiyon; Akayi kuphinda akufuduse; Uya kubuvelela ubugwenxa bakho, ntombi yakwaEdom. Uya kuzityhila izono zakho.

5

5:1b.LAM.005.001 Kukhumbule, Yehova, okusihleleyo; Bheka, uyibone ingcikivo yethu.

5:2b.LAM.005.002 Ilifa lethu lisuke lenziwa elabasemzini, Izindlu zethu zalunga kwabolunye uhlanga.

5:3b.LAM.005.003 Siziinkedama, asinabawo; Oma banjengabahlolokazi.

5:4b.LAM.005.004 Amanzi ethu siwasela ngesilivere; Iinkuni zethu ziza kuthi ngexabiso.

5:5b.LAM.005.005 Intshutshiso iphezu kwentamo yethu; Sidiniwe, asinakuphumla.

5:6b.LAM.005.006 Isandla sisinika amaYiputa, Nama-Asiriya, ukuba sihluthe sisonka.

5:7b.LAM.005.007 Oobawo bonile, abasekho; Thina sithwele ubugwenxa babo.

5:8b.LAM.005.008 Silawulwa ngabakhonzi; Akukho usiqhiwulayo ezandleni zabo.

5:9b.LAM.005.009 Isonka sethu sisizuza ngomphefumlo wethu usisichenge. Ngenxa yekrele lasentlango.

5:10b.LAM.005.010 Ulusu lwethu luyavutha njengeziko Ngenxa yolophu lwendlala.

5:11b.LAM.005.011 Badlwengule abafazi eZiyon, Iintombi emizini yakwaYuda.

5:12b.LAM.005.012 Baxhome abathetheli ngezandla; Ubuso bamadoda amakhulu abubekwa.

5:13b.LAM.005.013 Amadodana athwala amatye okusila, Amakhwenkwe akhubeka phantsi kweenkuni.

5:14b.LAM.005.014 Amadoda amakhulu aphezile ukuya esangweni; Amadodana, ekubetheni uhadi.

5:15b.LAM.005.015 Iphelile imihlali yentliziyo yethu, Ukuqamba kwethu kujike kwaba kukumbambazela.

5:16b.LAM.005.016 Siwile isithsaba entlokweni yethu; Yeha ke thina! kuba sonile.

5:17b.LAM.005.017 Ngenxa yoko ityhafile intliziyo yethu; Ngenxa yezo zinto amnyama amehlo ethu;

5:18b.LAM.005.018 Ngenxa yentaba yaseZiyon, kuba ibharhile, Kuhamba iimpungutye phezu kwayo.

5:19b.LAM.005.019 Wena, Yehova, uhleli ngonaphakade; Itrone yakho ikwisizukulwana ngesizukulwana.

5:20b.LAM.005.020 Yini na ukuba usilibale ngonaphakade, Usilahle imihla emide?

5:21b.LAM.005.021 Sibuyisele kuwe, Yehova; sobuya; Hlaziya imihla yethu njengokwamandulo.

5:22b.LAM.005.022 Ungaba usicekise mpela na, Wanoburhalarhume kuthi ngokukhulukazi na?


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Lamentations (Xhosa). Lamentations (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3BE-6