Ecclesiastes (Xhosa)
1
1:1b.ECC.001.001 Amazwi eNtshumayeli, unyana kaDavide, ukumkani waseYerusalem.
1:2b.ECC.001.002 Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; amampunge awo amampunge, yonke into ingamampunge.
1:3b.ECC.001.003 Unalungelo lini umntu emigudwini yakhe yonke, ayenzayo phantsi kwelanga?
1:4b.ECC.001.004 Kumka esinye isizukulwana, kulandele esinye isizukulwana; ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.
1:5b.ECC.001.005 Ilanga liyaphuma, ilanga libuya litshone, liphikele endaweni yalo apho liphuma khona.
1:6b.ECC.001.006 Umoya uya ezantsi, ujikeleze usinge entla, uhamba ujikajikeleza, ubuye ubuya umoya ekujikelezeni kwawo.
1:7b.ECC.001.007 Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali; endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona.
1:8b.ECC.001.008 Zonke izinto ziyazixhamla; umntu akanako ukuzithetha; alihluthi iliso kukubona, ayizali indlebe kukuva.
1:9b.ECC.001.009 Into eyayikho yeya kubuya ibekho; into eyenzekayo yeya kubuya yenzeke yona. Akukho nto intsha phantsi kwelanga.
1:10b.ECC.001.010 Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, le intsha! ibiselikho kade, emaphakadeni abekho ngaphambi kwethu.
1:11b.ECC.001.011 Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo.
1:12b.ECC.001.012 Mna, Ntshumayeli, ndibe ndingukumkani kwaSirayeli eYerusalem.
1:13b.ECC.001.013 Intliziyo yam ndayinikela ukuba ingxoke, isingasinge ngobulumko, yonke into eyenzekayo phantsi kwezulu; ngumzamo ombi uThixo awunike oonyana babantu, ukuba bawuzame.
1:14b.ECC.001.014 Ndazikhangela zonke izenzo ezenzekayo phantsi kwelanga; yabona, zonke zingamampunge nokusukelana nomoya.
1:15b.ECC.001.015 Into egoso ayinakolulwa; into engekhoyo ayinakubalwa.
1:16b.ECC.001.016 Ndathetha mna nentliziyo yam, ndisithi, Yabona, mna ndikhulise ndandisa ubulumko, ngaphezu kwabo bonke ababephethe iYerusalem phambi kwam; nentliziyo yam ibone kakhulu ubulumko nokwazi.
1:17b.ECC.001.017 Intliziyo yam ndayinikela ekwazini ubulumko, nasekwazini ubugeza nobuyatha; kwanaloo nto ndayiqonda ukuba kukusukelana nomoya.
1:18b.ECC.001.018 Ngokuba ebuninzini bobulumko kukho ukuhlelwa sisiyengelezane esininzi; owongeza ukwazi, wongeza umvandedwa.
2
2:1b.ECC.002.001 Ndathi mna entliziyweni yam, Khawuze khe ndikulinge ngovuyo, ubone okulungileyo. Yabona, kwanaloo nto ingamampunge.
2:2b.ECC.002.002 Ndathi kohlekayo, Uyageza; nakovuyayo, Wenza ntoni na lo?
2:3b.ECC.002.003 Ndasingasinga entliziyweni yam ukuba nditsale inyama yam ngewayini, ekubeni intliziyo yam iziqhuba ngobulumko: ukuba ndazane nobuyatha, ndide ndibone ukuba yiyiphi na into ebalungeleyo oonyana babantu, ukuze bayenze phantsi kwezulu, ngemihla embalwa yobomi babo.
2:4b.ECC.002.004 Ndazenzela imisebenzi emikhulu, ndazakhela izindlu: ndazityalela izidiliya,
2:5b.ECC.002.005 ndazenzela amasimi nemiyezo, ndatyala kuyo imithi eneziqhamo zonke;
2:6b.ECC.002.006 ndazenzela amachibi amanzi okunyela ihlathi elihluma imithi;
2:7b.ECC.002.007 ndathenga amakhoboka namakhobokazana, ndaba nawo nazalelwe endlwini yam. Kananjalo imfuyo yeenkomo neyempahla emfutshane yaba ninzi kum, ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwam eYerusalem.
2:8b.ECC.002.008 Ndaziqwebela nesilivere, negolide, nezinto eziziinqobo zookumkani ngookumkani, nezamazwe ngamazwe; ndazenzela iimvumi neemvumikazi, neziyolo zoonyana babantu, inkosikazi namakhosikazi.
2:9b.ECC.002.009 Ndaba mkhulu ke, ndanda ngaphezu kwabo bonke ababeseYerusalem ngaphambi kwam; bathi nobulumko bam bandinceda.
2:10b.ECC.002.010 Andiwabandezanga into yonke ayibizayo amehlo am; andiyivimbanga intliziyo yam namnye umvuyo; ngokuba intliziyo yam yayivuya emigudwini yam yonke, saba sesi ke isabelo sam emigudwini yam yonke.
2:11b.ECC.002.011 Ndabheka mna ezenzweni zam zonke, ezazenzayo izandla zam, nasemigudwini yam endaphuka yiyo ukuyenza; ndayibona ukuba yonke loo nto ingamampunge nokusukelana nomoya; akukho lungelo phantsi kwelanga.
2:12b.ECC.002.012 Ndazijika mna, ndakhangela ubulumko, nobugeza, nobuyatha: ngokuba ngumntu oyini na, lowo uya kuza emva kokumkani? lo ubeselenziwe kade?
2:13b.ECC.002.013 Ndabona ukuba ubulumko buyabugqitha ubuyatha, njengokuba ukukhanya kubugqitha ubumnyama.
2:14b.ECC.002.014 Isilumko, amehlo aso asentlokweni yaso; ke sona isinyabi sihamba emnyameni. Ndaqonda ke mna ukuba bonke bephela bahlelwa sihlo sinye.
2:15b.ECC.002.015 Ndathi mna entliziyweni yam, Njengoko sihlelwa kuko isinyabi, ndiya kuhlelwa kuko nam lo: ibiyini na ke ukuba ndisidlule mna ngokulumka? Ndathi entliziyweni yam, Kwanaloo nto ingamampunge.
2:16b.ECC.002.016 Ngokuba isilumko kunye nesinyabi asinakukhunjulwa kungunaphakade, ekubeni kusiza iimini ezoba sezilityelwe zonke ezo nto. Kutheni na, ukuba zife izilumko kunye nezinyabi?
2:17b.ECC.002.017 Ndabuthiya ke ubomi; ngokuba mibi kum imisebenzi eyenzeka phantsi kwelanga; ngokuba yonke loo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya.
2:18b.ECC.002.018 Ndayithiya yonke imigudu yam, endaphuka yiyo phantsi kwelanga, ekubeni ndiya kuyishiya nomntu oya kubakho emva kwam.
2:19b.ECC.002.019 Waziwa ngubani na, ukuba woba sisilumko, nokuba woba sisiyatha, kusini na? Ukanti uya kugunyazela emigudwini yam yonke endaphuka yiyo, endalumkayo kuyo phantsi kwelanga; kwanaloo nto ingamampunge.
2:20b.ECC.002.020 Ndajika ke mna, ndayincamisisa intliziyo yam ngemigudu yonke endaphuka yiyo phantsi kwelanga.
2:21b.ECC.002.021 Ngokuba kubakho umntu omigudu yakhe inobulumko, inokwazi, inempumelelo; ukanti uya kuyinika umntu ongenzanga migudu, ibe sisabelo sakhe; kwanaloo nto ingamampunge nobubi obukhulu.
2:22b.ECC.002.022 Ngokuba umntu uba nantoni na ngemigudu yakhe yonke, nangenzondelelo yentliziyo yakhe, aphuka yiyo yena phantsi kwelanga?
2:23b.ECC.002.023 Ngokuba imihla yakhe yonke inomvandedwa, nasekuzameni kwakhe ukhathazekile, nasebusuku ayiphumli intliziyo yakhe; kwanaloo nto ingamampunge.
2:24b.ECC.002.024 Akukho nto ilungileyo ebantwini kunokuba badle, basele, bawubonise umphefumlo wabo okulungileyo emigudwini yabo. Kwanaloo nto ndiyibonile, ukuba ivela esandleni sikaThixo.
2:25b.ECC.002.025 Ngokuba ngubani na ongadlayo, ngubani na ongavayo ubumnandi, engenaye?
2:26b.ECC.002.026 Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi novuyo; ke yena umoni umnika umzamo wokuhlanganisa nokuqweba, ukuze loo nto ayinike olungileyo phambi koThixo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.
3
3:1b.ECC.003.001 Into yonke inexesha elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwezulu:
3:2b.ECC.003.002 ukuzala kunexesha lako, ukufa kunexesha lako; ukutyala kunexesha lako, ukunyothula okutyelweyo kunexesha lako;
3:3b.ECC.003.003 ukubulala kunexesha lako, ukuphilisa kunexesha lako; ukuchitha kunexesha lako, ukwakha kunexesha lako;
3:4b.ECC.003.004 ukulila kunexesha lako; ukuhleka kunexesha lako; kukho ixesha lokulila umbambazelo, kukho nexesha lokudloba;
3:5b.ECC.003.005 kukho ixesha lokuchithachitha amatye, kukho nexesha lokufumba amatye; ukuwola kunexesha lako, ukuyeka ukuwola kunexesha lako;
3:6b.ECC.003.006 ukufuna kunexesha lako, ukulahlekelwa kunexesha lako; ukugcina kunexesha lako, ukulahla kunexesha lako;
3:7b.ECC.003.007 ukukrazula kunexesha lako, ukuthunga kunexesha lako; ukuthi cwaka kunexesha lako, ukuthetha kunexesha lako;
3:8b.ECC.003.008 ukuthanda kunexesha lako, ukuthiya kunexesha lako; kukho ixesha lemfazwe, kukho nexesha loxolo.
3:9b.ECC.003.009 Unalungelo lini na lowo usebenzayo, kuloo nto ayenzela imigudu?
3:10b.ECC.003.010 Ndiwubonile umzamo, awunike oonyana babantu uThixo, ukuba bawuzame.
3:11b.ECC.003.011 Zonke izinto uzenze zantle ngexesha lazo; kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo ngohlobo lokuba umntu angasifumani isenzo asenzayo uThixo, athabathele ekuqaleni ade ase ekupheleni.
3:12b.ECC.003.012 Ndiyazi ke ukuba akukho nto ilungileyo phakathi kwabo, ingekukuvuya nokuzizuzela okulungileyo ebomini babo.
3:13b.ECC.003.013 Kwanokuba wonke umntu adle, asele, abone okulungileyo emigudwini yakhe yonke: sisipho sikaThixo eso.
3:14b.ECC.003.014 Ndiyazi ke ukuba yonke into aya kuyenza uThixo, yiyo eya kuba ngonaphakade; kungongezwa nto kuyo, kungacatshulwa nto kuyo: uThixo ukwenzela ukuba koyikwe ebusweni bakhe.
3:15b.ECC.003.015 Le nto ikhoyo ibiselikho kade; nento eya kubakho ibiselikho kade. UThixo ke ubuya ayifune into egxothiweyo.
3:16b.ECC.003.016 Ndabuya ndabona phantsi kwelanga indawo yokugweba, ukuba okungendawo kukhona; nendawo yobulungisa, ukuba okungendawo kukhona.
3:17b.ECC.003.017 Ndathi mna entliziyweni yam, Nolilungisa nongendawo, uThixo uya kulithetha ityala labo; ngokuba umise ixesha layo yonke imicimbi, nazo zonke izenzo.
3:18b.ECC.003.018 Ndathi mna entliziyweni yam, Kungenxa yoonyana babantu, ukuze uThixo abahlele, nokuze bazibone benjengeenkomo bona ngokwabo.
3:19b.ECC.003.019 Ngokuba bayahlelwa oonyana babantu, ziyahlelwa neenkomo, sinye isihlo kubo nakuzo; njengoko kunjalo ukufa kwabo, kunjalo ukufa kwazo; mnye umoya kubo bonke nakuzo zonke; akukho kuyigqitha komntu inkomo; ngokuba zonke ezo nto zingamampunge.
3:20b.ECC.003.020 Zonke ezo nto ziya ndaweni-nye; zonke ezo nto zavela eluthulini, zonke ezo nto zibuyela eluthulini.
3:21b.ECC.003.021 Ngubani na owaziyo umoya woonyana babantu, ukuba uyenyuka na uye phezulu; nomoya wenkomo, ukuba uyehla na uye phantsi emhlabeni?
3:22b.ECC.003.022 Ndaqonda ke ukuba akukho nto ilunge ngaphezu kokuba umntu avuye ezenzweni zakhe; ngokuba kusisabelo sakhe oko. Ngokuba uya kungeniswa ngubani na, ukuba akubone okuya kubakho emveni kwakhe?
4
4:1b.ECC.004.001 Ndabuya ke mna, ndakubona konke ukucudisa okwenziwayo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabacudisiweyo, bengenamthuthuzeli; esandleni sabacudisi babo kuphuma ububhovubhovu, bengenamthuthuzeli bona.
4:2b.ECC.004.002 Ndabancoma ke mna abafileyo, abasebefe kade, kunabahleliyo abasahleliyo ngoku.
4:3b.ECC.004.003 Ke ulungile kunabo bobabini lowo ungekabikho, ungakubonanga ukwenza okubi okwenziwa phantsi kwelanga.
4:4b.ECC.004.004 Kananjalo ndayiqonda ke mna yonke imigudu, nayo yonke impumelelo yomsebenzi, ukuba ingumona wokwanyelana. Kwanaloo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya.
4:5b.ECC.004.005 Isinyabi sikhwabusha izandla, sidle kwaeyaso inyama.
4:6b.ECC.004.006 Kulungile ukuzalisa sandla sinye ngokuphumla, kunokuzalisa zozibini izandla ngemigudu nokusukelana nomoya.
4:7b.ECC.004.007 Ndabuya mna, ndabona amampunge phantsi kwelanga.
4:8b.ECC.004.008 Kukho oba yedwa, ongenaye owesibini, ongenanyana namzalwana; ingena siphelo imigudu yakhe yonke, angahluthiyo noko bubutyebi amehlo akhe. Akatsho ukuthi, Ndaphukela bani na, ndiwuhlutha nje umphefumlo wam okulungileyo? Kwanaloo nto ingamampunge, ingumzamo ombi yona.
4:9b.ECC.004.009 Kulungile ukuba babe ngababini kunokuba abe mnye, kuba banomvuzo olungileyo ngemigudu yabo.
4:10b.ECC.004.010 Ngokuba xa bathe bawa, omnye unokumphakamisa uwabo; yeha ke, yena oyedwa, othe wawa! kuba akukho wesibini wokumphakamisa.
4:11b.ECC.004.011 Kananjalo ababini, bathe balala, baya kuva ukusitha; angathini na ukuva ukusitha olele yedwa?
4:12b.ECC.004.012 Ukuba umntu uthe wamgagamela oyedwa, bona ababini baya kumisa phambi kwakhe; umsonto ontluntathu awuhle uqhawulwe.
4:13b.ECC.004.013 Ulungile umntwana olihlwempu elumkile, ngaphezu kokumkani oselemkhulu, esisidenge, ongasakuvayo ukuyalwa.
4:14b.ECC.004.014 Ngokuba uphuma endlwini yamakhonkxwa ukuba abe ngukumkani; ukanti uzalelwe ebukumkanini balowo ulihlwempu.
4:15b.ECC.004.015 Ndababona bonke abadla ubomi, behamba phantsi kwelanga kunye naye umntwana, lo ungowesibini, uza kuma esikhundleni salowo.
4:16b.ECC.004.016 Akukho kuphela kwabantu bonke, kwabo bonke angaphambi kwabo; ukanti amavela-mva akayi kuvuya ngaye. Ngokuba kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.
5
5:1b.ECC.005.001 Gcina unyawo lwakho xeshikweni uya endlwini kaThixo; ukusondela ukuba uve, kungaphezu kokunikela kwezidenge imibingelelo; ngokuba ukungazi kwazo kwenza izinto ezimbi.
5:2b.ECC.005.002 Musa ukungxama ngomlomo wakho, intliziyo yakho ingaphangi ikhuphe ilizwi phambi koThixo; ngokuba uThixo usemazulwini, ke wena usehlabathini; ngenxa yoko amazwi akho makabe mancinane.
5:3b.ECC.005.003 Ngokuba ukuphupha kuza ngobuninzi bemicimbi, nezwi lesidenge liza ngobuninzi bentetho.
5:4b.ECC.005.004 Xeshikweni uthe wabhambathisa isibhambathiso kuThixo, musa ukuzekelela ukusizalisa; ngokuba azinanzwa izidenge; loo nto uyibhambathisileyo yizalise.
5:5b.ECC.005.005 Kulungile ukuba ungabhambathisi, kunokuba ubhambathise ungazalisi.
5:6b.ECC.005.006 Musa ukuwuvumela umlomo wakho, ukuba uyonise inyama yakho; ungatsho phambi komthunywa kaThixo ukuthi ibikukulahleka. Yini na ukuba uThixo abe noburhalarhume ngezwi lakho asonakalise isenzo sezandla zakho?
5:7b.ECC.005.007 Ngokuba ebuninzini bamaphupha namazwi, maninzi amampunge; ke yoyika uThixo.
5:8b.ECC.005.008 Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto; ngokuba oyena uphakamileyo ukhangele phezu kophakamileyo; kukho abaphakamileyo naphezu kwabo.
5:9b.ECC.005.009 Ilungelo lelizwe entweni yonke ngukumkani onyamekela umhlaba.
5:10b.ECC.005.010 Othanda isilivere akaneliswa yisilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto. Kwanaloo nto ingamampunge.
5:11b.ECC.005.011 Ekwandeni kwezinto ezilungileyo bayanda abazidlayo zona, abe umninizo enempumelelo eyini na, ingekuko ukwanela ukuzibona ngamehlo?
5:12b.ECC.005.012 Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo.
5:13b.ECC.005.013 Kukho ububi obusisifo, endibubonileyo phantsi kwelanga; ukuthi ubutyebi obugcinelwe umninibo, bube nobubi kuye;
5:14b.ECC.005.014 obo butyebi butshabalala ngento embi; uzala unyana, engenayo nento esandleni sakhe.
5:15b.ECC.005.015 Njengokuba waphuma esizalweni sonina eze, uya kubuya emke njengoko weza enjalo, angathabathi nento ngemigudu yakhe, angayiphathayo ngesandla sakhe.
5:16b.ECC.005.016 Kwanale nto bububi obusisifo, ukuba eya kumka kanye kwanjengoko weza ngako: unalungelo lini na ke owaphukela umoya?
5:17b.ECC.005.017 Kananjalo iimini zakhe zonke uzidlela emnyameni, enengqumbo enkulu, nesifo, noburhalarhume.
5:18b.ECC.005.018 Nantsi into endiyibonileyo mna, ilungile, intle: into yokuthi umntu adle, asele, abone okulungileyo ngemigudu yakhe yonke aphuka yiyo phantsi kwelanga, ngokwenani lemihla yobomi bakhe amnikileyo uThixo; ngokuba kusisabelo sakhe oko.
5:19b.ECC.005.019 Kananjalo wonke umntu, athe uThixo wamnika ubutyebi nokuqweba, wamnika negunya lokudla kubo, athabathe isabelo sakhe, avuye emigudwini yakhe: sisipho sikaThixo eso.
5:20b.ECC.005.020 Ngokuba akayikhumbuli kakhulu imihla yobomi bakhe; ngokuba uThixo eluphendula uvuyo lwentliziyo yakhe.
6
6:1b.ECC.006.001 Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, buninzi ke phezu komntu:
6:2b.ECC.006.002 yindoda uThixo ayinike ubutyebi, nokuqweba, nozuko, ungasweli umphefumlo wayo nanye into engayinqwenelayo, aze uThixo angayiphi amandla okuyidla; ngokuba idliwa yenye indoda. Ngamampunge lawo, sisifo esibi eso.
6:3b.ECC.006.003 Ukuba umntu uthe wazala ikhulu labantwana, wadla ubomi iminyaka emininzi, yamininzi imihla yeminyaka yakhe, umphefumlo wakhe awahlutha zizinto ezilungileyo, kananjalo akaba nangcwaba: ndithi mna, imvambilini ilungile kunaye.
6:4b.ECC.006.004 Ngokuba ifike ingamampunge, imka kumnyama, igama layo ligutyungelwe bubumnyama;
6:5b.ECC.006.005 kananjalo ayilibonanga ilanga, ayilazanga; le yona ilungile kunomntu lowo.
6:6b.ECC.006.006 Nokuba ebeya kudla ubomi iwaka leminyaka kude kube kabini, angakuboni okulungileyo, ayiyi ndaweni-nye na yonke loo nto?
6:7b.ECC.006.007 Yonke imigudu yomntu uyenzela umlomo wakhe: ukanti umphefumlo awuzali.
6:8b.ECC.006.008 Ngokuba isilumko sisigqitha ngantoni na isidenge? Usigqitha ngantoni na olusizana, okwaziyo ukuhamba phambi kwabaphilileyo?
6:9b.ECC.006.009 Kulungile ukubona kwamehlo ngaphezu kokuhambahamba komphefumlo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.
6:10b.ECC.006.010 Loo nto iselikho, yabe iselithiywe kade igama layo; yaziwa into aya kuba yiyo umntu; akanakumelana nalowo unokumeyisa.
6:11b.ECC.006.011 Ngokuba kukho amazwi amaninzi nje, andisa amampunge; umntu unalungelo lini na ngaloo nto?
6:12b.ECC.006.012 Ngokuba ngubani na owaziyo okumlungeleyo umntu ebomini, ngangenani lemihla yobomi bakhe obungamampunge, ayigqiba njengesithunzi? Ngokuba ngubani na onokumxelela umntu into eya kubakho emva kwakhe phantsi kwelanga?
7
7:1b.ECC.007.001 Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu.
7:2b.ECC.007.002 Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko.
7:3b.ECC.007.003 Kulungile ukuba nosizi ngaphezu kokuhleka; ngokuba intliziyo iyalunga bububi bobuso.
7:4b.ECC.007.004 Intliziyo yezilumko isendlwini yesijwili; ke intliziyo yezidenge isendlwini yovuyo.
7:5b.ECC.007.005 Kulungile ukuva ukukhalimela kwesilumko, kunokuba umntu eve ingoma yezidenge.
7:6b.ECC.007.006 Ngokuba njengokuqhuqhumba kwevaba ngaphantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesidenge; naloo nto ingamampunge.
7:7b.ECC.007.007 Ngokuba ukucudisa kugezisa isilumko, siyitshabalalise intliziyo isicengo.
7:8b.ECC.007.008 Kulungile ukugqitywa kwendawo, ngaphezu kokuqalwa kwayo; ulungile umoya ozeka kade umsindo, kunomoya ozidlayo.
7:9b.ECC.007.009 Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge.
7:10b.ECC.007.010 Musa ukuthi, Ibiyini na, le nto imihla yamandulo ibilungile ngaphezu kwale? ngokuba akuthabatheli ebulumkweni ukuyibuza loo nto.
7:11b.ECC.007.011 Bulungile ubulumko, bunelifa, bulilungelo kwabalibonayo ilanga.
7:12b.ECC.007.012 Ngokuba ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo.
7:13b.ECC.007.013 Wukhangele umsebenzi kaThixo; ngokuba ngubani na onokolula into ayenze yagoso?
7:14b.ECC.007.014 Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba nalo, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe.
7:15b.ECC.007.015 Le nto yonke ndiyibonile ngemihla yam engamampunge: kubakho ilungisa elitshabalalayo noko linobulungisa, kubekho ongendawo ophila ixesha elide, noko angendawo.
7:16b.ECC.007.016 Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiseleyo; yini na ukuba uziphanzise?
7:17b.ECC.007.017 Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho?
7:18b.ECC.007.018 Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela.
7:19b.ECC.007.019 Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi.
7:20b.ECC.007.020 Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni.
7:21b.ECC.007.021 Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo, ukuze ungevi umkhonzi wakho, eselekutshabhisa;
7:22b.ECC.007.022 ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba uyabatshabhisa abanye nawe.
7:23b.ECC.007.023 Ezo zinto zonke ndizilingile ngobulumko; ndathi ndiya kulumka; ke bona baba kude kum.
7:24b.ECC.007.024 Hayi, ukuba kude kwezinto ezikhoyo, zinzulu kakhulu; ngubani na oya kuzifumana?
7:25b.ECC.007.025 Ndajika ke mna, ndanentliziyo enga ingazi, ingasingasinga, ifume ubulumko nesigqibo seengcinga; enga ingakwazi okungendawo ukuba kukunyaba, nokumatha ukuba kukugeza.
7:26b.ECC.007.026 Ndayifumana ikrakra ngaphezu kokufa, inkazana eyiyimigibe iphela, ezizibatha intliziyo yayo, ezandla zingamakhamandela olungileyo phambi koThixo uya kusinda kuyo, ke yena umoni uya kubanjiswa yiyo.
7:27b.ECC.007.027 Yabona into endiyifumeneyo, itsho iNtshumayeli, ndihloma enye kwenye, ukuba ndifumane isigqibo seengcinga;
7:28b.ECC.007.028 obumana ukuyifuna umphefumlo wam, ndingayifumani, nantsi: indoda enye ewakeni ndiyifumene, ke yona inkazana kulo lonke andiyifumananga.
7:29b.ECC.007.029 Yabona, le nto yodwa ndiyifumene, yokuba uThixo wamenza umntu wathi tye; ke bona bafune ubuqili obuninzi.
8
8:1b.ECC.008.001 Ngubani na onjengesilumko esi? Ngubani na okwaziyo ukuconjululwa kwendawo? Ubulumko bomntu bukhanyisa ubuso bakhe, buguqulwe ubungwanyalala bobuso bakhe.
8:2b.ECC.008.002 Mna ndithi, Umthetho wokumkani wugcine, ngenxa yesifungo sikaThixo.
8:3b.ECC.008.003 Musa ukukungxamela ukumka ebusweni bakhe; ungangeni kwiyelenqe; ngokuba into yonke ayinanzileyo uyayenza.
8:4b.ECC.008.004 Ekubeni ilizwi lokumkani linegunya, ngubani na onokuthi kuye, Wenza ntoni na?
8:5b.ECC.008.005 Ogcina umthetho akazi nto imbi; intliziyo yesilumko iyalazi ixesha nesi gwebo;
8:6b.ECC.008.006 ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe;
8:7b.ECC.008.007 ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo?
8:8b.ECC.008.008 Akukho mntu unokuwugunyazela umoya, awuthintele umoya; akukho unokuyigunyazela imini yokufa; akukho kukhululeka kuloo mfazwe; okungendawo akunakubasiza abaniniko.
8:9b.ECC.008.009 Le nto yonke ndiyibonile, ndayinikela intliziyo yam kwizenzo zonke ezenziwayo phantsi kwelanga, ngexesha athi umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye.
8:10b.ECC.008.010 Ekubeni kunjalo, ndibone abangendawo bengcwatywa, begoduka; besithi endaweni engcwele bemke abo benze okulungileyo, balityalwe kuloo mzi.
8:11b.ECC.008.011 Kwanaloo nto ingamampunge. Ekubeni isigwebo singawiswa kamsinyane emsebenzini ombi, ngenxa yoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi.
8:12b.ECC.008.012 Nakubeni umoni esenza okubi izihlandlo ezilikhulu, ayolule imihla yakhe, noko ndiyazi ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo, kwaboyikayo ebusweni bakhe;
8:13b.ECC.008.013 kungalungi kongendawo, angayoluli imihla yakhe, njengethunzi; ekubeni engoyiki ebusweni bukaThixo.
8:14b.ECC.008.014 Kukho amampunge enzekayo ehlabathini: ukuba kukho amalungisa ahlelwa ngokokwenza kwabangendawo; kukho nabangendawo abahlelwa ngokokwenza kwamalungisa; ndathi, kwanaloo nto ingamampunge.
8:15b.ECC.008.015 Ndaluncoma ke mna uvuyo, ngokuba kungekho nto imlungeleyo umntu phantsi kwelanga, ngaphezu kokuba adle, asele, avuye; loo nto ithane mbende naye emigudwini yakhe, ngemihla yobomi bakhe amnikayo uThixo phantsi kwelanga.
8:16b.ECC.008.016 Xeshikweni ndayinikelayo intliziyo yam ukuba ndibazi ubulumko, ndiwubone umzamo owenzekayo ehlabathini (ngokuba nasemini nasebusuku ababoni buthongo ngamehlo abo),
8:17b.ECC.008.017 ndasibona ke sonke isenzo sikaThixo, ukuba akanako umntu ukusifumana isenzo eso senzekayo phantsi kwelanga; nakubeni umntu esaphuka ukusifuna, akasifumani. Nokuba sithe isilumko safuna ukwazi, asinakufumana.
9
9:1b.ECC.009.001 Ngokuba yonke le nto ndayinyamekela ngentliziyo yam, ndayihlela yonke le nto, yokuba amalungisa, nezilumko, nemisebenzi yabo, isesandleni sikaThixo; nokuthanda nokuthiya, akukhona ekwazini kwabantu; le nto yonke basebeyimiselwe.
9:2b.ECC.009.002 Izinto zonke zibahlela ngokufanayo bonke: sinye isihlo kwilungisa nakongendawo; kolungileyo, kohlambulukileyo, nakoyinqambi; kobingelelayo nakongabingeleliyo; njengoko anjalo olungileyo, unjalo nomoni; ofungayo unjengalowo ukoyikayo ukufunga.
9:3b.ECC.009.003 Le yinto embi phakathi kwezinto zonke ezenzekayo phantsi kwelanga, ukuthi sibe sinye isihlo kubo bonke; ibe nentliziyo yoonyana babantu izele bububi; ibubugeza entliziyweni yabo besadla ubomi; emveni kwabo kuyiwa kwabafileyo.
9:4b.ECC.009.004 Ngokuba kosukuba ehlonyelwa kwabasadla ubomi, kusekho ithemba; ngokuba inja esaphilileyo ilunge ngaphezu kwengonyama efileyo.
9:5b.ECC.009.005 Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho, abasabi namvuzo; ngokuba balityelwe, abasakhunjulwa nganto.
9:6b.ECC.009.006 Seluphelile kade uthando lwabo, nentiyo yabo, nekhwele labo; abasenasabelo naphakade ezintweni zonke ezenzekayo phantsi kwelanga.
9:7b.ECC.009.007 Yiya udle isonka sakho unovuyo, usele iwayini yakho unentliziyo echwayithileyo; ngokuba sekukade ekholisiwe uThixo zizenzo zakho.
9:8b.ECC.009.008 Iingubo zakho mazibe mhlophe ngamaxesha onke, neoli mayingasweleki entlokweni yakho.
9:9b.ECC.009.009 Hlala kakuhle nomfazi omthandileyo ngemihla yonke yobomi bakho obungamampunge, akunikileyo phantsi kwelanga, ngemihla yakho yonke engamampunge; ngokuba sisabelo sakho eso ebomini, nasemigudwini yakho owaphuka yiyo phantsi kwelanga.
9:10b.ECC.009.010 Yonke into esiyifumanayo isandla sakho ukuba siyenze, yenze ngamandla akho; ngokuba akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo, apho uya khona wena.
9:11b.ECC.009.011 Ndabuya ndabona phantsi kwelanga, ukuba ukugidima asikokwabanamendu, imfazwe asiyeyamagorha; kananjalo isonka asisesezilumko; kananjalo ubutyebi asibobabanenqiqo; kananjalo ubabalo asilolwabanokwazi; ngokuba bonke bephela bafikelwa lixesha nasisihlo.
9:12b.ECC.009.012 Ngokuba umntu akalazi nexesha lakhe; njengeentlanzi ezibanjiswe ngomnatha ombi, nanjengeentaka ezibanjiswe ngomgibe, banjalo ukurhintyelwa kwabo oonyana babantu ngexesha elibi, xa libawele ngesiquphe.
9:13b.ECC.009.013 Nale nto ndiyibone ibubulumko phantsi kwelanga, babukhulu kum:
9:14b.ECC.009.014 umzi omncinane unamadoda ambalwa; kweza kuwo ukumkani omkhulu, wawungqinga, wawakhela iimboniselo ezinkulu.
9:15b.ECC.009.015 Wafumana kuwo indoda elihlwempu inobulumko; yona yawusiza umzi ngobulumko bayo; ke akubangakho mntu ubuya ayikhumbule le ndoda ilihlwempu.
9:16b.ECC.009.016 Ndathi ke mna, Bulunge ubulumko ngaphezu kobugorha; kodwa ubulumko beli hlwempu budelekile, namazwi alo akaviwa.
9:17b.ECC.009.017 Amazwi ezilumko, eviwe ngokuthozama, angaphezu kokunkqangaza kolawula phakathi kwezidenge.
9:18b.ECC.009.018 Bulunge ubulumko ngaphezu kweempahla zokulwa; ke yena umoni emnye utshabalalisa okulungileyo okuninzi.
10
10:1b.ECC.010.001 Iimpukane ezifileyo zinukisa zibilise amafutha omqholi; ubudenge obuncinane bunzima kunobulumko nozuko.
10:2b.ECC.010.002 Intliziyo yesilumko ingasekunene kwaso: intliziyo yesidenge ingasekhohlo kwaso.
10:3b.ECC.010.003 Ewe, nasendleleni, xa sithe isidenge sahamba ngayo, siyayiswela intliziyo, sihambe sisithi kubantu bonke, Ndisisidenge.
10:4b.ECC.010.004 Ukuba ukufutha komlawuli kuthe kwenyuka kwakuchasa, musa ukuyishiya indawo yakho; ngokuba ubulali buleleza izono ezikhulu.
10:5b.ECC.010.005 Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, obunjengokulahleka okuphuma konegunya:
10:6b.ECC.010.006 ubudenge bunikwa iindawo eziphezulu ezinkulu, zibe izityebi zihleli kwiindawo eziphantsi.
10:7b.ECC.010.007 Ke ndizibone izicaka zikhwele emahasheni, namatshawe ehamba phantsi ngeenyawo njengezicaka.
10:8b.ECC.010.008 Omba isigingqi, angeyela kuso; ochitha uthango, inyoka ingamluma.
10:9b.ECC.010.009 Omba amatye, angenzakala; ocanda iinkuni angaba semngciphekweni.
10:10b.ECC.010.010 Ukuba intsimbi ithe yaba buthuntu, akalulola uhlangothi lwayo, wogonyela ngoko ngamandla; ke ubulumko buyanceda bulungise.
10:11b.ECC.010.011 Ukuba inyoka ithe yaluma kungekho kukhafula, akabi nanzuzo umnyangi.
10:12b.ECC.010.012 Amazwi omlomo wesilumko anokubabala; ke yona imilebe yomlomo wesidenge iginya kwasona.
10:13b.ECC.010.013 Ingqalo, yamazwi omlomo waso bubudenge, nengqibo yomlomo waso bubugeza obubi.
10:14b.ECC.010.014 Isidenge sandisa amazwi, engakwazi umntu okuya kubakho nokuya kubakho emva kwakhe, ngubani na onokumxelela?
10:15b.ECC.010.015 Imigudu yezidenge iyazixhamla, ezingakwaziyo ukuya emzini.
10:16b.ECC.010.016 Yeha, wena lizwe likumkani ungumntwana, limatshawe adla kwakusasa!
10:17b.ECC.010.017 Hayi, uyolo lwakho, lizwe likumkani ungunyana wabanumzana, limatshawe adlayo ngexesha elililo, enobugorha, engenamithayi!
10:18b.ECC.010.018 Ngobuvila iyabhena imiqadi; ngokuthamba kwezandla iyanetha indlu.
10:19b.ECC.010.019 Benza isidlo ukuba bahleke, iwayini ivuyise ubomi; imali ilungele iinto zonke.
10:20b.ECC.010.020 Musa ukumtshabhisa ukumkani, nasesazeleni sakho, ungasitshabhisi nesityebi ezingontsini zakho zokulala; ngokuba intaka yasendle yolihambisa elo zwi, nento enamaphiko iyixele loo ntetho.
11
11:1b.ECC.011.001 Siphose isonka sakho phezu kwamanzi, ngokuba wosifumana kwakuba ziintsuku ezininzi.
11:2b.ECC.011.002 Yahlula izahlulo zibe sixhenxe, zibe sibhozo, ngokuba akuyazi into embi eya kubakho ehlabathini.
11:3b.ECC.011.003 Ukuba amafu athe azala yimvula, ayithululela emhlabeni; ukuba umthi uthe wawa, wabheka ezantsi, nokuba uthe wabheka entla, kuloo ndawo uwe kuyo umthi lowo, wolala khona.
11:4b.ECC.011.004 Ogqala umoya akayi kuhlwayela; okhangela amafu akayi kuvuna.
11:5b.ECC.011.005 Njengokuba ungayazi ukuba yiyiphi na indlela yomoya, kwanjengokuyilwa kwamathambo esiswini somithiyo; ngokunjalo akusazi isenzo sikaThixo owenza izinto zonke.
11:6b.ECC.011.006 Kusasa hlwayela imbewu yakho, nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba ungazi ukuba kolunga yiphi na, nokuba yile nokuba yileya, kusini na, nokuba zolunga ngakunye zombini na.
11:7b.ECC.011.007 Kumnandi ukukhanya, kulungile emehlweni ukulibona ilanga.
11:8b.ECC.011.008 Ngokuba umntu, ukuba uthe wadla ubomi iminyaka emininzi, makavuye ngayo yonke iphela, noko ke akhumbule imihla yobumnyama, ukuba iya kuba mininzi. Yonke into ezayo ingamampunge.
11:9b.ECC.011.009 Vuya, ndodana, ebutsheni bakho, ikuchwayithise intliziyo yakho ngemihla yobudodana bakho, uhambe ngeendlela zentliziyo yakho, nangokukhangela kwamehlo akho; kodwa yazi ukuba ngenxa yezo zinto zonke uThixo uya kukusa ematyaleni.
11:10b.ECC.011.010 Yisuse ke ingqumbo entliziyweni yakho, ubudlulise ububi enyameni yakho; ngokuba ubutsha nobudoda bungamampunge.
12
12:1b.ECC.012.001 Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho, ingekezi imihla yobubi, ingekafiki iminyaka owothi ngayo, Ayindiyolele;
12:2b.ECC.012.002 lingekabi mnyama ilanga, nokukhanya, nenyanga, neenkwenkwezi, engekabuyi amafu emva kwemvula;
12:3b.ECC.012.003 loo mini baya kungevezela abagcini bendlu, agobe amadoda anobukroti, ziyeke iintokazi ezisilayo ngokuba zimbalwa, kube mnyama kwabakhangela ngeefestile;
12:4b.ECC.012.004 zivalwe iingcango ngasesitratweni, kwakubon ukuba sidambile isandi sokusila, evuka kwazisathetha iintaka, zinqwilile zonke iintombi zengoma;
12:5b.ECC.012.005 naxeshikweni baya kuzoyika iindawo eziphakamileyo, neento eziqhiphula umbilini zibe sendleleni; utyatyambe umamangile, uchabachabase umqhathu, utshitshe umnqweno; ngokuba umntu esiya ekhayeni lakhe laphakade, bajikajike ezitratweni abambambazeli;
12:6b.ECC.012.006 ingekaqhawuki intambo yesilivere, lityumke iselwa legolide, uqhekeke umphanda emthonjeni, yaphuke ivili iwe equleni;
12:7b.ECC.012.007 lungekabuyeli emhlabeni uthuli, njengoko belunjalo, umoya ubuyele kuThixo owawunikayo.
12:8b.ECC.012.008 Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; into yonke ingamampunge.
12:9b.ECC.012.009 Phezu koko, ngokuba iNtshumayeli ibisisilumko, yamana ibafundisa abantu ukwazi, yalinganisela, yabagocagoca, yayila imizekeliso emininzi.
12:10b.ECC.012.010 INtshumayeli yafuna, inga ingafumana amazwi anandiphekayo, kuthi nokubhalwayo kulunge, ibe ngamazwi enyaniso.
12:11b.ECC.012.011 Amazwi ezilumko anjengeemviko; anjengezikhonkwane ezitshonisiweyo asezintlanganiseleni, anikwe ngumalusi emnye.
12:12b.ECC.012.012 Nangaphezu koko, nyana wam, vuseleleka; ukwenza iincwadi ezininzi akunakuphela, nokuphikela ukufunda okuninzi kudinisa inyama.
12:13b.ECC.012.013 Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.
12:14b.ECC.012.014 Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Ecclesiastes (Xhosa). Ecclesiastes (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3B2-2