Ezra (Xhosa)
1
1:1b.EZR.001.001 Ke kaloku ngowokuqala umnyaka kaKoreshi, ukumkani wasePersi, ukuze kuzaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawuxhokonxa umoya kaKoreshi, ukumkani wasePersi; wahambisa izwi ebukumkanini bakhe bonke, walibhala, esithi,
1:2b.EZR.001.002 Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi, ukuthi, Zonke izikumkani zehlabathi uzinike mna uYehova, uThixo wamazulu. Yena undiyalele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem, ekwaYuda.
1:3b.EZR.001.003 Ubani ophakathi kwenu, ebantwini bakhe bonke, uThixo wakhe makabe naye, anyuke aye eYerusalem ekwaYuda, ayakhe indlu kaYehova, uThixo kaSirayeli (nguye uThixo), eseYerusalem.
1:4b.EZR.001.004 Onke amasalela, ezindaweni zonke aphambukele kuzo, makancedwe ngamadoda aloo ndawo akuyo ngesilivere, negolide, nempahla, neenkomo, kunye nomnikelo wabaqhutywa yintliziyo, wendlu kaThixo eseYerusalem.
1:5b.EZR.001.005 Zesuka ke iintloko zezindlu zooyise zakwaYuda, nezakwaBhenjamin, nezababingeleli, nezabaLevi, bonke abo uThixo wawuxhokonxayo umoya wabo, ukuba banyuke, baye kuyakha indlu kaYehova eseYerusalem.
1:6b.EZR.001.006 Bonke ababebangqongile babancedisa ngezitya zesilivere, nangegolide, nangempahla, nangeenkomo, nangezinto ezinqabileyo; ngaphandle kwazo zonke ezibe zinikwe ngabantu ngokuqhutywa yintliziyo.
1:7b.EZR.001.007 Ke ukumkani uKoreshi wazirhola iimpahla zendlu kaYehova, awayezithabathe eYerusalem uNebhukadenetsare, wazibeka endlwini yoothixo bakhe.
1:8b.EZR.001.008 UKoreshi ukumkani wasePersi wazirhola, wazinikela kuMitredati, umgcini-ndyebo, wazibalela kuSheshbhatsare, isikhulu sakwaYuda.
1:9b.EZR.001.009 Lilo eli inani lazo: izitya zegolide zamashumi mathathu, izitya zesilivere zaliwaka, iinkamba zamashumi mabini anesithoba, iindebe zegolide zamashumi mathathu,
1:10b.EZR.001.010 iindebe zesilivere zohlobo lwesibini zamakhulu mane anashumi linye, iimpahla ezizimbi zaliwaka.
1:11b.EZR.001.011 Zonke iimpahla zegolide nezesilivere zaba mawaka mahlanu anamakhulu amane. Zonke ezo nto wazinyusa uSheshbhatsare, ekunyusweni kwababethinjelwe eBhabheli, beziswa eYerusalem.
2
2:1b.EZR.002.001 Ngabo ke aba oonyana belizwe lakwaYuda abenyukayo, kwababethinjwe basemfudusweni, awabafudusela eBhabheli uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ababuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo;
2:2b.EZR.002.002 abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noSeraya, noRehelaya, noMordekayi, noBhileshan, noMispare, noBhigwayi, noRelum, noBhahana. Inani lamadoda abantu bakwaSirayeli:
2:3b.EZR.002.003 oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.
2:4b.EZR.002.004 Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini.
2:5b.EZR.002.005 Oonyana baka-Ara ibingamakhulu asixhenxe, anamanci asixhenxe anabahlanu.
2:6b.EZR.002.006 Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini anamakhulu asibhozo, aneshumi elinye elinababini.
2:7b.EZR.002.007 Oonyana bakaElam ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabane.
2:8b.EZR.002.008 Oonyana bakaZatu ibingamakhulu asithoba, anamanci mane anabahlanu.
2:9b.EZR.002.009 Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu.
2:10b.EZR.002.010 Oonyana bakaBhani ibingamakhulu amathandathu, anamanci mane anababini.
2:11b.EZR.002.011 Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anabathathu.
2:12b.EZR.002.012 Oonyana baka-Azegadi ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mabini anababini.
2:13b.EZR.002.013 Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anabathandathu.
2:14b.EZR.002.014 Oonyana bakaBhigwayi ibingamawaka amabini, anamanci mahlanu anabathandathu.
2:15b.EZR.002.015 Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amane, anamanci mahlanu anabane.
2:16b.EZR.002.016 Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo.
2:17b.EZR.002.017 Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, ana manci mabini anabathathu.
2:18b.EZR.002.018 Oonyana bakaYora ibilikhulu elineshumi elinababini.
2:19b.EZR.002.019 Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anabathathu.
2:20b.EZR.002.020 Oonyana baseGibhare ibingamashumi asithoba anabahlanu.
2:21b.EZR.002.021 Oonyana baseBhetelehem ibilikhulu, elinamanci mabini anabathathu.
2:22b.EZR.002.022 Amadoda aseNetofa ibingamashumi amahlanu anamathandathu.
2:23b.EZR.002.023 Amadoda aseAnatoti ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.
2:24b.EZR.002.024 Oonyana baseAzemavete ibingamashumi amane anababini.
2:25b.EZR.002.025 Oonyana baseKiriyati-yeharim neKefira neBheroti, ibingamakhulu asixhenxe, anamanci amane anabathathu.
2:26b.EZR.002.026 Oonyana baseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anamnye.
2:27b.EZR.002.027 Amadoda aseMikimase ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini.
2:28b.EZR.002.028 Amadoda aseBheteli neAyi ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anamathathu.
2:29b.EZR.002.029 Oonyana baseNebho ibingamashumi amahlanu anababini.
2:30b.EZR.002.030 Oonyana bakaMagebhishe ibilikhulu, elinamanci mahlanu anabathandathu.
2:31b.EZR.002.031 Oonyana bomnye uElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci amahlanu anabane.
2:32b.EZR.002.032 Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini.
2:33b.EZR.002.033 Oonyana baseLodi neHadide neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anabahlanu.
2:34b.EZR.002.034 Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mane anabahlanu.
2:35b.EZR.002.035 Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu amathandathu, anamanci mathathu.
2:36b.EZR.002.036 Ababingeleli: oonyana bakaYedaya bendlu kaYeshuwa ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.
2:37b.EZR.002.037 Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.
2:38b.EZR.002.038 Oonyana bakaPashure ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mane anesixhenxe.
2:39b.EZR.002.039 Oonyana bakaHarim ibiliwaka, elineshumi elinesixhenxe.
2:40b.EZR.002.040 AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodaviya, ibingamashumi asixhenxe anabane.
2:41b.EZR.002.041 Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.
2:42b.EZR.002.042 Oonyana babamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, bebonke ibilikhulu, elinamanci mathathu anesithoba.
2:43b.EZR.002.043 Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhayoti,
2:44b.EZR.002.044 oonyana bakaKerose, oonyana bakaSiyaha, oonyana bakaPadon,
2:45b.EZR.002.045 oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana baka-Akubhi,
2:46b.EZR.002.046 oonyana bakaHagabhi, oonyana bakaShalemayi, oonyana bakaHanan,
2:47b.EZR.002.047 oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare, oonyana bakaRehaya,
2:48b.EZR.002.048 oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, oonyana bakaGazam,
2:49b.EZR.002.049 oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, oonyana bakaBhesayi,
2:50b.EZR.002.050 oonyana baka-Asna, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefusim,
2:51b.EZR.002.051 oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHar-hure,
2:52b.EZR.002.052 oonyana bakaBhatseluti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha,
2:53b.EZR.002.053 oonyana bakaBharkose, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama,
2:54b.EZR.002.054 oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa.
2:55b.EZR.002.055 Oonyana babakhonzi bakaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSoferete, oonyana bakaPeruda,
2:56b.EZR.002.056 oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGidele,
2:57b.EZR.002.057 oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Ami.
2:58b.EZR.002.058 Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini.
2:59b.EZR.002.059 Ngaba abenyuka, bevela eTele-mela, naseTele-harsha, naseKerubhi-adan-imere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise, nembewu yabo, ukuba ngabakwaSirayeli na:
2:60b.EZR.002.060 oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu anamanci mahlanu anababini.
2:61b.EZR.002.061 Ke koonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotsi, oonyana bakaBharzilayi (owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo),
2:62b.EZR.002.062 abo bakufuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwe emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.
2:63b.EZR.002.063 Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.
2:64b.EZR.002.064 Lonke ibandla, lindawonye, ibe ingamawaka angamashumi amane anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu;
2:65b.EZR.002.065 ngaphandle kwezicaka zabo ezi, nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini.
2:66b.EZR.002.066 Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mane anabahlanu;
2:67b.EZR.002.067 iinkamela zabo ibingamakhulu amane, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini.
2:68b.EZR.002.068 Inxenye yeentloko zezindlu zooyise ekufikeni kwayo endlwini kaYehova eseYerusalem, yayizisela indlu kaThixo iminikelo yokuqhutywa yintliziyo, ukuba imiswe endaweni yayo.
2:69b.EZR.002.069 Banikela ngoko konke ababenako ebuncwaneni bomsebenzi: igolide yangamawaka amashumi amathandathu, anawaka linye eedarike, nesilivere yangamawaka amahlanu eemina, nekhulu leengubo ezingaphantsi zababingeleli.
2:70b.EZR.002.070 Bahlala ke ababingeleli, nabaLevi, nabantu inxenye, neemvumi, nabamasango, nabakonzi betempile, emizini yakowabo; amaSirayeli onke emizini yawo.
3
3:1b.EZR.003.001 Ithe yakufika inyanga yesixhenxe, oonyana bakaSirayeli besemizini yabo, bahlangana abantu njengamntu mnye, beza eYerusalem.
3:2b.EZR.003.002 Wesuka uYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe ababingeleli, noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nabazalwana bakhe, basakha isibingelelo sikaThixo kaSirayeli, ukuba kunyuswe phezu kwaso amadini anyukayo, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses umfo wakwaThixo.
3:3b.EZR.003.003 Basizinzisa isibingelelo endaweni yaso; ngokuba beboyikiswe zizizwe zala mazwe. Banyusa phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova, amadini anyukayo akusasa nawangokuhlwa.
3:4b.EZR.003.004 Benza umthendeleko weminquba njengoko kubahliweyo, namadini anyukayo iimini ngeemini, ngenani, ngokwesiko, into yemini ngangemini yayo.
3:5b.EZR.003.005 Emveni kwawo benza idini elinyukayo lamaxesha onke, nawokuthwasa kwenyanga, nawamaxesha onke kaYehova angcwalisiweyo, amisiweyo, nawabo bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo kuYehova, iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.
3:6b.EZR.003.006 Baqala ugowokuqala umhlawenyanga yesixhenxe, baqala banyusa amadini anyukayo kuYehova; itempile kaYehova ibe ingekasekwa.
3:7b.EZR.003.007 Imali bayinika abaqingqi nabakroli; banika amaTsidon namaTire ukudla, nento eselwayo, neoli, ukuba athabathe imisedare eLebhanon, ayizise ngolwandle eYafo, ngokuvunyelwa kwabo nguKoreshi ukumkani wasePersi.
3:8b.EZR.003.008 Ngomnyaka wesibini wokufika kwabo endlwini kaThixo eYerusalem, ngenyanga yesibini, baqala ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaTsadoki, nabanye abazalwana babo, ababingeleli, nabaLevi, nabo bonke ababephume ekuthinjweni ukuza eYerusalem, bamisa abaLevi, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kwenyusa, ukuba bawongamele umsebenzi wendlu kaYehova.
3:9b.EZR.003.009 Kwema ooYeshuwa noonyana bakhe nabazalwana bakhe, uKademiyeli noonyana bakhe, oonyana bakaHodaviya, njengamntu mnye, ukubongamela abawenzayo umsebenzi endlwini kaThixo: oonyana bakaHenadade, oonyana babo nabazalwana babo, abaLevi.
3:10b.EZR.003.010 Abakhi bayiseka itempile kaYehova; bema ababingeleli, bevethe, benamaxilongo; nabaLevi, oonyana baka-Asafu, benamacangci, ukumdumisa uYehova ngokolwalathiso lukaDavide ukumkani wakwaSirayeli.
3:11b.EZR.003.011 Basusela ngokudumisa, nangokubulela kuYehova, besithi, Ulungile, inceba yakhe ingunaphakade kuSirayeli; ke bonke abantu baduma ngodumo olukhulu, bedumisa uYehova ngenxa yokusekwa kwendlu kaYehova.
3:12b.EZR.003.012 Ke isininzi kubabingeleli, nabaLevi, neentloko zezindlu zooyise, namadoda amakhulu, awayeyibonile indlu yokuqala, sathi ekusekweni kwale ndlu emehlweni aso, salila ngezwi elikhulu; ke abaninzi baduma, bavuya ngokuphakamisa ilizwi.
3:13b.EZR.003.013 Abantu ababa nakulahlula ilizwi lokuduma ngokuvuya kwilizwi lokulila kwabantu; ngokuba abantu babeduma ngodumo olukhulu; ilizwi lavakala nakude.
4
4:1b.EZR.004.001 Ke kaloku, bakuva ababandezeli bamaYuda nabamaBhenjamin, ukuba oonyana basemfudusweni bamakhela itempile uYehova uThixo wakwaSirayeli,
4:2b.EZR.004.002 beza kuZerubhabheli, nakwiintloko zezindlu zooyise, bathi kubo, Masakhe nani, ngokuba siquqela uThixo wenu njengani; sibingelela kuye kususela kwimihla kaEsar-hadon, ukumkani waseAsiriya, owasinyusela apha.
4:3b.EZR.004.003 Wathi uZerubhabheli, noYeshuwa, nabanye abaziintloko zezindlu zooyise bakwaSirayeli kubo, Anithe ni nathi ekumakheleni uThixo wethu indlu; somakhela sedwa uYehova, uThixo wakwaSirayeli, njengoko wasiwisela umthetho ngako ukumkani onguKoreshi, ukumkani wasePersi.
4:4b.EZR.004.004 Abantu belo zwe bamana ukubaphelisa amandla abantu bakwaYuda, beboyikisa ekwakheni;
4:5b.EZR.004.005 bebaqeshela amagqwetha, ukuba alishitshise iqhinga labo, yonke imihla kaKoreshi ukumkani wasePersi, kwada kwezisa ebukumkanini bukaDariyo ukumkani wasePersi.
4:6b.EZR.004.006 Nasebukumkanini buka-Ahaswerose, ekuqalekeni kobukumkani bakhe, babhala, bebancetheza abemi bakwaYuda nabaseYerusalem.
4:7b.EZR.004.007 Nangemihla ka-Artashashta kwabhala uBhish-lam, noMitredati, noTabheli, nabanye abalingane babo, kuArtashashta ukumkani wasePersi; incwadi yabhalwa ngentetho yesiAram, yakhunyushwa ngesiAram.
4:8b.EZR.004.008 OoRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, babhala incwadi ngeYerusalem kuArtashashta ukumkani, ngolu hlobo.
4:9b.EZR.004.009 Bathumela ke ooRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, nabanye abalingane babo bamaDina, nabama-Afarsateki, nabamaTarpela, nabama-Afarsi, nabama-Arki, nabamaBhabheli, nabamaShushanki, nabamaDehavi, nabamaElam,
4:10b.EZR.004.010 nezinye izizwe, awazithimbayo uOsnapare omkhulu obekekileyo, wazibeka emzini wakwaSamari, nakweminye nganeno koMlambo, nakwezinye iindawo.
4:11b.EZR.004.011 Yiyo le incwadi abayithumela kuArtashashta ukumkani, ithi: Abakhonzi bakho, amadoda anganeno koMlambo, njalonjalo.
4:12b.EZR.004.012 Makwazeke kukumkani, ukuba amaYuda anyukileyo evela kuwe, afikile kuthi eYerusalem; ayawakha umzi ogwilikayo, ongendawo; ayazimisa iindonga zawo, ayazimbela iziseko.
4:13b.EZR.004.013 Makwazeke ngoku kukumkani, ukuba othi, xa uthe wakhiwa lo mzi, zafezwa neendonga zawo, angarholi rhafu nasithabathaba, nalunikelo, kude kuye kuxhwaleka ookumkani.
4:14b.EZR.004.014 Kaloku, ngenxa enokuba sisidla ityuwa yasebhotwe, kwaye kungafanelekile kuthi ukubona ukumkani encitshiswa. Ngako oko siyathumela, simazisa ukumkani,
4:15b.EZR.004.015 ukuze kuphicothwe encwadini yezikhumbuzo ezo zooyihlo, wazi ukuba lo mzi waba ngumzi ogwilikayo, owaxhwalekisa ookumkani namazwe, kwenziwa, isiphendu phakathi kwawo kwakudala, waba linxuwa lo mzi ngenxa yoko.
4:16b.EZR.004.016 Siyamazisa ukumkani ukuba, xa uthe wakhiwa lo mzi, zafezwa neendonga zawo, wothi ngenxa yelo thuba ungabi nasabelo wena nganeno koMlambo.
4:17b.EZR.004.017 Waza ukumkani wabathumela impendulo ooRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, nabanye abalingane babo abahleli kwaSamari, nabanye abanganeno koMlambo, wathi: Uxolo, njalonjalo.
4:18b.EZR.004.018 Loo ncwadi nayithumelayo kuthi ilesiwe ngokucacileyo phambi kwam.
4:19b.EZR.004.019 Ndiwise umthetho, kwaphicothwa, kwafunyanwa ukuba lo mzi kwakudala uziphakamisile kookumkani, kwenziwa ugwiliko nesiphendu phakathi kwawo.
4:20b.EZR.004.020 Kwabe kukho ookumkani abanamandla eYerusalem, nabanegunya kwilizwe lonke eliphesheya koMlambo apho; kunikelwa kubo irhafu, nesithabathaba, nonikelo.
4:21b.EZR.004.021 Wisani ngoko umthetho wokuba abanjezelwe loo madoda, loo mzi ungakhiwa, kude kuwiswe umthetho ndim.
4:22b.EZR.004.022 Lumkani, ningakhe le nto niyiyeke; kungani na ukuba kukhule ukonakala, baxhwaleke ookumkani?
4:23b.EZR.004.023 Ithe yakuleswa incwadi ka-Artashashta ukumkani phambi koRehum, noShimshayi umbhali, nabalingane babo, basuka, beza ngobungxamo eYerusalem kumaYuda, bawanyanzela ngegunya nangamandla.
4:24b.EZR.004.024 Waza wema umsebenzi wendlu kaThixo eseYerusalem; wema kwada kwaba ngumnyaka wesibini wobukumkani bukaDariyo, ukumkani wasePersi.
5
5:1b.EZR.005.001 Ke kaloku abaprofeti, ooHagayi umprofeti, noZekariya unyana kaIdo, baprofeta kumaYuda abekwaYuda neYerusalem, egameni likaThixo kaSirayeli obekubo.
5:2b.EZR.005.002 Baza basuka ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabathetheli bakhe, ukuba bayakhe indlu kaThixo eYerusalem, abaprofeti bakaThixo bekubo bencedisana nabo.
5:3b.EZR.005.003 Kwangelo xesha, weza kubo uTatenayi, ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane babo, bathi kubo, Niwiselwe umthetho ngubani na ukuba niyakhe le ndlu, nilwenze olu donga?
5:4b.EZR.005.004 Saza senjenje ukuthetha kubo, ngoonantsi noonantsi, amagama amadoda ayakhayo le ndlu.
5:5b.EZR.005.005 Ke iliso loThixo wawo libe liphezu kwamadoda amakhulu amaYuda, ukuba bangawabambezeli, ide loo ndawo iye kuDariyo, bakhuphe incwadi ngayo loo ndawo.
5:6b.EZR.005.006 Incwadi leyo, ooTatenayi, ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane bakhe bama-Afarseka banganeno koMlambo, bayithumelayo kuDariyo ukumkani,
5:7b.EZR.005.007 bayithumela loo ndawo kuye; kwabhalwa kwathiwa kuyo: KuDariyo ukumkani, uxolo luphelele.
5:8b.EZR.005.008 Makwazeke kukumkani, ukuba saya ezweni lakwaYuda, endlwini kaThixo omkhulu. Iyakhiwa ngamatye anzima, nemithi iyafakwa ezindongeni; lo msebenzi usetyenzwa ngenyameko, uyaphumelela ezandleni zabo.
5:9b.EZR.005.009 Saza sabuza kumadoda lawo makhulu, sathi kuwo, Niwiselwe umthetho ngubani na ukuba niyakhe le ndlu, nilwenze olu donga?
5:10b.EZR.005.010 Sabuza kuwo namagama awo, ukuba sikwazise wena, siwabhale amagama amadoda aziintloko kuwo.
5:11b.EZR.005.011 Enjenje ke ukusibuyisela impendulo, athi, Singabakhe, singabakhonzi bakaThixo wamazulu nehlabathi. Sakha le ndlu yakhiwayo iminyaka emininzi eyadlulayo, yakhiwa yafezwa ngukumkani omkhulu wakwaSirayeli.
5:12b.EZR.005.012 Ngokokuba oobawo bamqumbisayo uThixo wamazulu, wabanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umKaledi. Yena wayichitha le ndlu, wabafudusela eBhabheli abantu.
5:13b.EZR.005.013 Kodwa ngomnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani waseBhabheli, ukumkani uKoreshi wawisa umthetho wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo.
5:14b.EZR.005.014 Kananjalo iimpahla zendlu kaThixo zegolide nezesilivere, awazirholayo uNebhukadenetsare etempileni eseYerusalem, awazizisayo etempileni yaseBhabheli, ezo wazikhupha uKoreshi ukumkani etempileni yaseBhabheli: zanikelwa kogama linguSheshbhatsare, awammisayo ukuba abe libamba.
5:15b.EZR.005.015 Wathi kuye, Thabatha ezi mpahla, hamba, uzise etempileni eseYerusalem, indlu kaThixo yakhelwe endaweni yayo.
5:16b.EZR.005.016 Waza weza lo Sheshbhatsare, wazibeka iziseko zendlu kaThixo eseYerusalem; kususela kwelo xesha unangoku iyakhiwa; ayikagqitywa ke.
5:17b.EZR.005.017 Kaloku, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphicothwe endlwini yendyebo yokumkani, eseBhabheli apho, kukhangelwe ukuba kunjalo na, ukuba wawiswa na umthetho nguKoreshi ukumkani, wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo eYerusalem; kananjalo makuthunyelwe kuthi ukuthanda kokumkani ngale nto.
6
6:1b.EZR.006.001 Waza uDariyo ukumkani wawisa umthetho; kwaphicothwa endlwini khona eBhabheli.
6:2b.EZR.006.002 Kwafunyanwa komkhulu, eAmeta, eselizweni lamaMedi, incwadi esongwayo; kwaye kubhaliwe apho isikhumbuzo, kwathiwa:
6:3b.EZR.006.003 Ngowokuqala umnyaka kaKoreshi ukumkani, wawisa umthetho uKoreshi ukumkani, wathi, Indlu kaThixo eYerusalem, mayakhiwe indlu leyo, ibe yindawo apho kubingelelwa khona imibingelelo; zimiswe neziseko zayo; ukuphakama kwayo kube ziikubhite ezimashumi mathandathu, ububanzi bayo bube ziikubhite ezimashumi mathandathu.
6:4b.EZR.006.004 Ize ibe ziingcamba ezintathu zamatye anzima, nocamba lwemithi emitsha; indleko mayiphume endlwini yokumkani.
6:5b.EZR.006.005 Neempahla zendlu kaThixo zegolide, nezesilivere, awazirholayo uNebhukadenetsare etempileni yaseYerusalem, wazizisa eBhabheli, mazibuyiswe zisiwe etempileni eseYerusalem, ezindaweni zazo, endlwini kaThixo.
6:6b.EZR.006.006 Ngoko, Tatenayi, bamba laphesheya koMlambo, nawe Shetar-bhozenayi, nabalingane benu bama-Afarseka phesheya koMlambo, yibani kude naloo nto;
6:7b.EZR.006.007 wuyekeni umsebenzi wale ndlu kaThixo. Ibamba lamaYuda namadoda amakhulu akwaYuda mabayakhe le ndlu kaThixo endaweni yayo.
6:8b.EZR.006.008 Ndiwisa umthetho wento enoyenza kumadoda amakhulu aloo maYuda, ukuba yakhiwe loo ndlu kaThixo; ndithi, loo madoda makanikwe indleko, ebutyebini bukakumkani, erhafini yaphesheya koMlambo, kunyanyekwe, angabanjezelwa.
6:9b.EZR.006.009 Nezinto ezifunekayo, iinkunzi ezintsha zeenkomo, neenkunzi zeegusha, neemvana, zokuba ngamadini anyukayo kuThixo wamazulu, nengqolowa, netyuwa, newayini, neoli, ngokwelizwi lababingeleli abaseYerusalem, makazinikwe imihla ngemihla, kungaphosiswa;
6:10b.EZR.006.010 ukuze basondeze imibingelelo elivumba elithozamisayo kuThixo wamazulu, bathandazele ubomi bokumkani noboonyana bakhe.
6:11b.EZR.006.011 Ndiwisa umthetho wokuba bonke abantu abayijikayo loo nto, makuncothulwe umthi endlwini yabo, baxhonywe, babethelelwe kuwo, nendlu yabo yenziwe indawo yokuya endle, ngenxa yoko.
6:12b.EZR.006.012 UThixo, olibeke khona igama lakhe, makabakhahlele phantsi bonke ookumkani, nabantu, abolula izandla zabo, beyijika loo nto, ukuba bayitshabalalise le ndlu kaThixo eseYerusalem. Mna Dariyo ndiwise umthetho; mawenziwe ngenyameko.
6:13b.EZR.006.013 Baza ooTatenayi ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane babo, ngenxa enokuba uDariyo ukumkani ethumile, benjenjalo ngenyameko.
6:14b.EZR.006.014 Ke amadoda amakhulu amaYuda akha, aphumelela ngokokuprofeta kukaHagayi umprofeti, noZekariya unyana kaIdo; akha ke agqiba, ngenxa yomthetho kaThixo kaSirayeli, nangenxa yomthetho wooKoreshi, noDariyo, noArtashashta, ookumkani basePersi.
6:15b.EZR.006.015 Yagqitywa ke le ndlu ngosuka lwesithathu lwenyanga enguAdare; ngumnyaka wesithandathu lowo wokulawula kukaDariyo ukumkani.
6:16b.EZR.006.016 Oonyana bakaSirayeli, ababingeleli nabaLevi nabanye oonyana basemfudusweni, bakwenza ngovuyo ukuhlaziywa kwale ndlu kaThixo.
6:17b.EZR.006.017 Basondezela ukuhlaziywa kwale ndlu kaThixo, ikhulu leenkunzi ezintsha zeenkomo, namakhulu amabini eenkunzi zeegusha, namakhulu amane eemvana; neenkunzi zeebhokhwe zedini lesono, ngenxa yamaSirayeli onke, zalishumi elinambini, ngokwenani lezizwe zakwaSirayeli.
6:18b.EZR.006.018 Babamisa ababingeleli ngokwezahlulo zabo, nabaLevi ngokwamaqela abo, phezu kwenkonzo kaThixo eseYerusalem, ngoko kubhaliweyo encwadini kaMoses.
6:19b.EZR.006.019 Oonyana basemfudusweni bayenza ipasika ngomhla weshumi elinesine wenyanga yokuqala;
6:20b.EZR.006.020 ngokuba babezihlambulule ababingeleli nabaLevi, njengamntu mnye, bahlambuluka bonke bephela; babaxhelela ipasika oonyana bonke basemfudusweni, nabazalwana babo ababingeleli, nabo ngokwabo.
6:21b.EZR.006.021 Badla ke oonyana bakaSirayeli ababebuye ekufudusweni, kwanabo bonke abazahlulayo ebunqambini beentlanga zelizwe, beza kubo ukuba bamquqele uYehova, uThixo kaSirayeli.
6:22b.EZR.006.022 Benza umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla yasixhenxe bevuyile; ngokuba uYehova ebebavuyisile ngokuyibuyisela kubo intliziyo yokumkani waseAsiriya, ukuze izandla zabo zomelezwe emsebenzini wendlu kaThixo, uThixo kaSirayeli.
7
7:1b.EZR.007.001 Emveni kwezo zinto, ebukumkanini buka-Artashashta ukumkani wasePersi, wathi uEzra, unyana kaSeraya, unyana ka-Azariya, unyana kaHilekiya,
7:2b.EZR.007.002 unyana ka-Shalum, unyana kaTsadoki, unyana ka-Abhitubhi,
7:3b.EZR.007.003 unyana ka-Amariya, unyana ka-Azariya, unyana kaMerayoti,
7:4b.EZR.007.004 unyana kaZeraya, unyana kaUzi, unyana kaBhuki,
7:5b.EZR.007.005 unyana ka-Abhishuwa, unyana kaPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli oyintloko:
7:6b.EZR.007.006 uEzra lowo wenyuka, ephuma eBhabheli. Waye engumbhali oyinkunkqele emyalelweni kaMoses, awawuwisayo uYehova, uThixo kaSirayeli. Ukumkani wamnika konke awakucelayo ngokwesandla sikaYehova, uThixo wakhe, esiphezu kwakhe.
7:7b.EZR.007.007 Kwenyuka naye inxenye yoonyana bakaSirayeli, neyababingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, besiya eYerusalem, ngomnyaka wesixhenxe ka-Artashashta ukumkani.
7:8b.EZR.007.008 Wafika eYerusalem ngenyanga yesihlanu; lowo ke ngumnyaka wesixhenxe wokumkani.
7:9b.EZR.007.009 Ngokuba ibe ingumhla wokuqala wenyanga yokuqala, awawumisela ukunyuka ngawo, ephuma eBhabheli; wafika eYerusalem ngomhla wokuqala wenyanga yesihlanu, ngokwesandla esilungileyo sikaThixo wakhe, esibe siphezu kwakhe;
7:10b.EZR.007.010 ngokuba uEzra intliziyo yakhe wayeyibhekise ekuwufuneni umyalelo kaYehova, awenze, afundise ummiselo nesiko kwaSirayeli.
7:11b.EZR.007.011 Yiyo le incwadi, awathi ukumkani uArtashashta wamnika uEzra umbingeleli, umbhali obhala amazwi emithetho kaYehova, nemimiselo yakhe kumaSirayeli:
7:12b.EZR.007.012 UArtashashta, ukumkani wookumkani, kuEzra umbingeleli, umbhali ogqibeleleyo emthethweni kaThixo wamazulu, njalonjalo.
7:13b.EZR.007.013 Ndiwise umthetho wokuba bonke ebukumkanini bam, phakathi kwabantu bakwaSirayeli, nababingeleli babo nabaLevi, abaqhutywa yintliziyo ukuya eYerusalem, mabahambe nawe.
7:14b.EZR.007.014 Ngokuba wena uthunywa ngukumkani namaphakathi akhe asixhenxe, ukubuzisa ngamaYuda neYerusalem, ngokomthetho kaThixo wakho osesandleni sakho;
7:15b.EZR.007.015 uyise isilivere negolide, ayinikelayo ukumkani namaphakathi akhe, ngokuqhutywa yintliziyo, kuThixo kaSirayeli, okhaya liseYerusalem;
7:16b.EZR.007.016 nayo yonke isilivere negolide, owoyifumana ezweni lonke laseBhabheli, kunye nomnikelo wokuqhutywa yintliziyo wabantu nababingeleli, abanikela ngokuqhutywa yintliziyo ngenxa yendlu kaThixo wabo, eseYerusalem.
7:17b.EZR.007.017 Ngoko ke uya kuthenga ngenyameko ngale mali iinkunzi ezintsha zeenkomo, neenkunzi zeegusha, neemvana, neminikelo yazo yokudla, nethululwayo; uyisondeze esibingelelweni sendlu kaThixo wenu eseYerusalem.
7:18b.EZR.007.018 Nento ethe yalunga kuwe, nakubazalwana bakho, ukwenziwa ngesilivere nangegolide eseleyo, noyenza ngokokuthanda kukaThixo wenu.
7:19b.EZR.007.019 Ke iimpahla ozinikiweyo ngenxa yombuso wendlu kaThixo wakho, zinikele ziphelele phambi koThixo eYerusalem.
7:20b.EZR.007.020 Nezinye izinto ezifunekayo zendlu kaThixo wakho, othi kuyafuneka ukuba zinikelwe, wozirhola endlwini yendyebo yokumkani.
7:21b.EZR.007.021 Mna Artashashta, kumkani, ndiwisa umthetho kubo bonke abagcini-ndyebo abaphesheya koMlambo, wokuba konke aya kukubiza kuni uEzra, umbingeleli, umbhali womthetho kaThixo wamazulu, makwenziwe ngenyameko,
7:22b.EZR.007.022 kuse ekhulwini leetalente zesilivere, nekhulu leekore zengqolowa, nekhulu leebhate zewayini, nekhulu leebhate zeoli, netyuwa ingalinganiselwa.
7:23b.EZR.007.023 Yonke into engomthetho kaThixo wamazulu mayenzelwe indlu kaThixo wamazulu ngokuthe nqo; kuba kungani na ukuba bufikelwe buburhalarhume ubukumkani bokumkani noonyana bakhe?
7:24b.EZR.007.024 Makwazeke kuni, ukuba bonke ababingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, nabalungiseleleli bale ndlu kaThixo, akukho bani unagunya lakubathwesa irhafu, nasithabathaba, nalunikelo.
7:25b.EZR.007.025 Wena Ezra, ngokobulumko bukaThixo wakho obusesandleni sakho, misa abagwebi, nabathethi bamatyala, ebantwini bonke abaphesheya koMlambo; ndithi, bonke abayaziyo imithetho kaThixo wakho; nabangayaziyo nobazisa.
7:26b.EZR.007.026 Ke bonke abasukuba bengawenzi umthetho kaThixo wakho, nomthetho wokumkani, malithethwe ityala labo ngenyameko, nokuba baya kubulawa, nokuba baya kugxothwa, nokuba baya kudliwa, nokuba baya kukhonkxwa.
7:27b.EZR.007.027 Makabongwe uYehova, uThixo woobawo, oyinikeleyo into enjalo entliziyweni yokumkani, ukuba ayihombise indlu kaYehova eseYerusalem;
7:28b.EZR.007.028 ondithobele inceba phambi kokumkani, namaphakathi akhe, nabathetheli bonke bokumkani abangamagorha. Mna ndomelezeka ngokwesandla sikaYehova uThixo wam esiphezu kwam; ndazibutha kumaSirayeli iintloko zezindlu zooyise, ukuba zinyuke nam.
8
8:1b.EZR.008.001 Zizo ke ezi iintloko zezindlu zooyise, nokubhalwa kwazo emilibeni yokuzalwa, ezenyuka nam, ziphuma eBhabheli, ebukumkanini buka-Artashashta ukumkani:
8:2b.EZR.008.002 koonyana bakaPinehasi nguGershom; koonyana bakaItamare nguDaniyeli; koonyana bakaDavide nguHatushe;
8:3b.EZR.008.003 koonyana bakaShekaniya, koonyana bakaParoshe, nguZekariya, enamadoda abhalwe emilibeni yokuzalwa, alikhulu elinamanci mahlanu;
8:4b.EZR.008.004 koonyana bakaPahati wakwaMowabhi nguEliyohenayi unyana kaZeraya, enamadoda angamakhulu mabini;
8:5b.EZR.008.005 koonyana bakaShekaniya, ngunyana kaYahaziyeli, enamadoda angamakhulu amathathu;
8:6b.EZR.008.006 koonyana baka-Adin nguEbhede unyana kaYonatan, enamadoda amashumi mahlanu;
8:7b.EZR.008.007 koonyana bakaElam nguYeshaya unyana ka-Ataliya, enamadoda amashumi asixhenxe;
8:8b.EZR.008.008 koonyana bakaShefatiya nguZebhadiya unyana kaMikayeli, enamadoda amashumi asibhozo;
8:9b.EZR.008.009 koonyana bakaYowabhi nguObhadiya unyana kaYehiyeli, enamadoda angamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo;
8:10b.EZR.008.010 koonyana bakaShelomiti ngunyana kaYosifiya, enamadoda alikhulu elinamanci mathandathu;
8:11b.EZR.008.011 koonyana bakaBhebhayi nguZekariya unyana kaBhebhayi, enamadoda amashumi mabini anesibhozo;
8:12b.EZR.008.012 koonyana baka-Azegadi nguYohanan unyana kaHakatan, enamadoda alikhulu elineshumi linye;
8:13b.EZR.008.013 koonyana bokugqibela baka-Adonikam abamagama angala: nguElifelete, noYehiyeli, noShemaya, benamadoda amashumi mathandathu;
8:14b.EZR.008.014 koonyana bakaBhigwayi ngu-Utayi, noZabhudi, enamadoda amashumi asixhenxe.
8:15b.EZR.008.015 Ndabahlanganisela emlanjeni ongumAhava; samisa khona imihla yamithathu. Ndabagqala abantu nababingeleli, andafumana khona namnye woonyana bakaLevi.
8:16b.EZR.008.016 Ndathumela ukuba kubizwe ooEliyezere, noAriyeli, noShemaya, noElinatan, noYaribhi, noElinatan, noNatan, noZekariya, noMeshulam, abaziintloko; noYoyaribhi noElinatan, abaqondisi-mthetho.
8:17b.EZR.008.017 Ndabasusa baya kuIdo, oyintloko endaweni eyiKasifiya; ndabeka amazwi emlonyeni wabo, ukuba bathethe wona kuIdo nabazalwana bakhe, abakhonzi betempile, endaweni eyiKasifiya, ukuba basizisele abalungiseleli bendlu kaThixo wethu.
8:18b.EZR.008.018 Bathi ke, ngokwesandla sikaThixo wethu esilungileyo esiphezu kwethu, babazisa kuthi ooIshi-sekele koonyana bakaMahali, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli; noSherebhiya, noonyana bakhe nabazalwana bakhe, ishumi elinesibhozo;
8:19b.EZR.008.019 noHashabhiya enoYeshaya koonyana bakaMerari nabazalwana bakhe, noonyana babo, amashumi amabini;
8:20b.EZR.008.020 nakubakhonzi betempile, ababethe ooDavide nabathetheli babanikela ukuba bakhonze kubaLevi; abakhonzi betempile ibingamakhulu amabini anamanci mabini, bonke bebalulwe ngamagama.
8:21b.EZR.008.021 Ndamema inzilo apho emlanjeni ongumAhava, ukuba sizithobe phambi koThixo wethu, sizifunele kuye indlela ethe tye, thina, nentsapho yethu, nemfuyo yethu yonke.
8:22b.EZR.008.022 Ngokuba ndandineentloni ukuba ndicele impi nabamahashe kukumkani, ukuba basincede ezintshabeni endleleni; ngokuba besesithe kukumkani, Isandla sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abamfunayo, ukuba kulunge; namandla akhe nomsindo wakhe uyabachasa bonke abamshiyayo.
8:23b.EZR.008.023 Sazila ukudla ke, samkhunga ngenxa yoko uThixo wethu, wathandazeka sithi.
8:24b.EZR.008.024 Ndahlula kubathetheli bababingeleli ishumi elinababini, ngaphandle koSherebhiya, noHashabhiya, neshumi labazalwana babo;
8:25b.EZR.008.025 ndayilinganisela kubo isilivere, negolide, nempahla, umrhumo wendlu kaThixo wethu, abawurhumayo ukumkani, namaphakathi akhe, nabathetheli bakhe, namaSirayeli onke awayekho apho.
8:26b.EZR.008.026 Ndalinganisela esandleni sabo amakhulu amathandathu anamanci mahlanu eetalente zesilivere, nekhulu leetalente zeempahla zesilivere, nekhulu leetalente zegolide;
8:27b.EZR.008.027 namashumi amabini eendebe zegolide ziliwaka leedarike, neempahla ezimbini zobhedu olubengezela kakuhle, zinqweneleka njengegolide.
8:28b.EZR.008.028 Ndathi kubo, Ningcwele kuYehova, iimpahla zingcwele; negolide nesilivere zingumnikelo wabaqhutywa yintliziyo, kuYehova, uThixo wooyihlo;
8:29b.EZR.008.029 phaphani, nizigcine, nide nizilinganisele phambi kwabathetheli bababingeleli, nabaLevi, nabathetheli bezindlu zooyise zamaSirayeli, eYerusalem, emagumbini endlu kaYehova.
8:30b.EZR.008.030 Ababingeleli nabaLevi bawamkela ke umlinganiso wesilivere negolide nempahla, ukuba bawuzise eYerusalem endlwini yoThixo wethu.
8:31b.EZR.008.031 Saza sanduluka emlanjeni ongumAhava ngomhla weshumi elinesibini wenyanga yokuqala, ukuba size eYerusalem; isandla soThixo wethu saba phezu kwethu, sasihlangula esandleni seentshaba nesabasilaleleyo endleleni.
8:32b.EZR.008.032 Safika eYerusalem, sahlala khona iintsuku zantathu.
8:33b.EZR.008.033 Ngomhla wesine yalinganiselwa isilivere negolide neempahla, endlwini yoThixo wethu, esandleni sikaMeremoti unyana kaUriya, umbingeleli, enoElazare unyana kaPinehasi, benoYozabhadi unyana kaYeshuwa, noNowadiya unyana kaBhinwi, abaLevi;
8:34b.EZR.008.034 zanikelwa ngokwenani ngokulinganiselwa kwezinto zonke; konke ukulinganiselwa kwabhalwa ngelo xesha.
8:35b.EZR.008.035 Oonyana basemfudusweni, abo babephume ekuthinjweni, basondeza amadini anyukayo kuThixo kaSirayeli: iinkunzi ezintsha zeenkomo zalishumi elinambini, ngenxa yamaSirayeli onke, neenkunzi zeegusha zamashumi asithoba anantandathu, neemvana zamashumi asixhenxe anesixhenxe, neenkunzi zeebhokhwe zedini lesono zalishumi elinambini; zonke zaba lidini elinyukayo kuYehova.
8:36b.EZR.008.036 Bayinikela imithetho yokumkani kwiirhuluneli zokumkani, nakumabamba nganeno koMlambo; abo babanceda abantu, nendlu kaThixo.
9
9:1b.EZR.009.001 Kwakugqitywa oko, beza kum abathetheli, bathi, Abantu bakwaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, abazahluli kwizizwe zamazwe la; benza ngokwamasikizi azo, awamaKanan, namaHeti, namaPerizi, namaYebhusi, nama-Amon, namaMowabhi, namaYiputa, nama-Amori;
9:2b.EZR.009.002 ngokuba bazizekele bona noonyana babo abafazi ezintombini zawo; yazixuba imbewu engcwele nezizwe zala mazwe; ke kuqale isandla sabathetheli nabaphathi kobu bumenemene.
9:3b.EZR.009.003 Ndathi ndakuliva elo lizwi, ndazikrazula iingubo zam, kwaneyokwaleka, ndazidlathula iinwele zam neendevu, ndahlala phantsi ndimangalisiwe.
9:4b.EZR.009.004 Ndahlanganisela kum bonke abagubha ngamazwi kaThixo kaSirayeli ngenxa yobumenemene babafuduswayo; ndahlala phantsi ndimangalisiwe, kwada kwalilixa lomnikelo wokudla wangokuhlwa.
9:5b.EZR.009.005 Ngelo xa lomnikelo wokudla wangokuhlwa, ndesuka ekuzithobeni kwam, ndazikrazula iingubo zam neyokwaleka, ndaguqa ngamadolo, ndazolulela izandla zam kuYehova uThixo wam, ndathi:
9:6b.EZR.009.006 Thixo wam, ndidanile, ndineentloni, andinakubuphakamisela kuwe ubuso bam, Thixo wam; ngokuba ubugwenxa bethu bukhulile, baba phezu kweentloko zethu; netyala lethu likhulu, lesa emazulwini.
9:7b.EZR.009.007 Kususela kwimihla yoobawo, sisetyaleni elikhulu unanamhla; ngenxa yobugwenxa bethu sanikelwa thina, nookumkani bethu, nababingeleli bethu, esandleni sookumkani bala mazwe, nasekreleni, nasekuthinjweni, nasekuphangweni, nasekudaneni kobuso, njengoko kunjalo namhla.
9:8b.EZR.009.008 Kaloku, ngokwephanyazo elincinane, kukho ubabalo oluvela kuYehova uThixo wethu, lokusishiyela abasindileyo, asinike isikhonkwane endaweni yengcwele yakhe, ukuze uThixo wethu awakhanyisele amehlo ethu, asisindise kancinane ebukhobokeni bethu.
9:9b.EZR.009.009 Ngokuba singamakhoboka; ke ebukhobokeni bethu akasishiyanga uThixo wethu; usithobele inceba phambi kookumkani basePersi, basisindisa, ukuba siphakamise indlu yoThixo wethu, silungise inxuwa layo, basibiyele uthango kwaYuda, naseYerusalem.
9:10b.EZR.009.010 Singathini na kaloku, Thixo wethu, emveni koko? Kuba siyishiyile imithetho yakho, owayiwisayo ngabakhonzi bakho abaprofeti, usithi,
9:11b.EZR.009.011 Ilizwe eniya kulima, lilizwe lokungcola, ngokungcola kwezizwe zala mazwe, ngamasikizi azo azalisileyo, athabathela kwelinye icala esa kwelinye, ngobunqambi bazo.
9:12b.EZR.009.012 Ke ngoko iintombi zenu musani ukuzendisela koonyana bazo, neentombi zazo musani ukuzizekela oonyana benu; ningalunyamekeli uxolo lwazo nokuzilungeleyo, naphakade; ukuze nomelele, nidle ukulunga kwelizwe elo, nilinike oonyana benu libe lilifa kude kuse ephakadeni.
9:13b.EZR.009.013 Emveni kwako konke okusihleleyo, ngenxa yezenzo zethu ezibi, nangenxa yetyala lethu elikhulu (kanti wena, Thixo wethu, usiyekile, akwasohlwaya ngangobugwenxa bethu, wasinika abasindileyo abangakanana),
9:14b.EZR.009.014 singabuya siyaphule na imithetho yakho, sendiselane nezizwe ezinaloo masikizi? Akuyi kusifuthela ngomsindo side siphele na, ukuze kungabikho baseleyo, basindileyo?
9:15b.EZR.009.015 Yehova, Thixo kaSirayeli, ulilungisa, ngokuba sisele singabasindileyo, njengoko kunjalo namhla. Uyabona, siphambi kwakho, sinalo ityala lethu, ngokuba akukho unokuma phambi kwakho ngenxa yoko.
10
10:1b.EZR.010.001 Ke kaloku akuthandaza uEzra, akukuxela oku, elila, eziwisile phambi kwendlu kaThixo, kwabuthelana kuye kumaSirayeli ibandla elikhulu kakhulu lamadoda, nabafazi, nabantwana, ngokuba abantu batsho ngesililo esikhulu.
10:2b.EZR.010.002 Waphendula uShekaniya unyana kaYehiyeli, owoonyana bakaElam, wathi kuEzra, Senze ubumenemene kuThixo wethu, sazeka abafazi bezinye iintlanga ezizweni zelizwe eli; kodwa kusekho ithemba kumaSirayeli ngale nto.
10:3b.EZR.010.003 Masimenzele ngoku umnqophiso uThixo wethu, wokuba sibakhuphe bonke abafazi nabazelwe ngabo, ngokwecebo lenkosi yam, nelabagubhela imithetho yoThixo wethu; makwenziwe ngokomyalelo.
10:4b.EZR.010.004 Vuka, ngokuba le nto iphezu kwakho; singakuwe; yomelela, wenze.
10:5b.EZR.010.005 Wavuka uEzra, wabafungisa abathetheli bababingeleli, nababaLevi, nabamaSirayeli onke, ukuba benze ngokwelo lizwi; bafunga ke.
10:6b.EZR.010.006 Wesuka uEzra phambi kwendlu kaThixo, wangena egumbini likaYohanan unyana kaEliyashibhi. Wathi akufika khona, akadla sonka, akasela manzi; ngokuba ubesenza isijwili ngenxa yobumenemene babo bafuduswayo.
10:7b.EZR.010.007 Bahambisa ilizwi kwaYuda naseYerusalem, kubo bonke oonyana basemfudusweni, lokuba babuthelane eYerusalem;
10:8b.EZR.010.008 bathi, bonke abathe abeza ngesithuba semihla emithathu, ngokwecebo labathetheli nelamadoda amakhulu, mayisingelwe phantsi yonke impahla yabo; ke bona ngokwabo bahlulwe nebandla lasemfudusweni.
10:9b.EZR.010.009 Abuthelana eYerusalem onke amadoda akwaYuda nawakwaBhenjamin ngeentsuku ezintathu; yaye iyinyanga yesithoba, ngowamashumi amabini umhla wenyanga leyo. Bahlala bonke abantu ebaleni lendlu kaThixo, bengcangcazela yile nto, naziimvula.
10:10b.EZR.010.010 Wesuka wema uEzra umbingeleli, wathi kubo, Nenze ubumenemene; nizeke abafazi bezinye iintlanga, ukuze nongeze etyaleni lamaSirayeli.
10:11b.EZR.010.011 Mzukiseni ngokunje uYehova, uThixo wooyihlo, nenze okukholekileyo kuye, nizahlule kwizizwe zeli lizwe, nakubafazi bezinye iintlanga.
10:12b.EZR.010.012 Laphendula lonke ibandla, lathi ngezwi elikhulu, Kufanelekile kuthi, ukuba senze ngokwelizwi lakho;
10:13b.EZR.010.013 kodwa abantu baninzi, yaye ilixesha lemvula, akunakumiwa phandle; lo msebenzi asingowemini enye, asingoweemini ezimbini; ngokuba sone kakhulu ngale nto.
10:14b.EZR.010.014 Abathetheli bethu ke mabalimele ibandla lonke; bathi bonke emizini yethu, abazeke abafazi bezinye iintlanga, beze ngamaxesha amisiweyo, benamadoda amakhulu emizi ngemizi, nabagwebi bayo, kude kubuyiswe kuthi ukuvutha komsindo woThixo wethu, isekho nje le nto.
10:15b.EZR.010.015 NgooYonatan unyana ka-Asayeli, noYazeya unyana kaTikwa, bodwa abamelana nelo lizwi; ooMeshulam, noShabhetayi umLevi, bebancedisa.
10:16b.EZR.010.016 Benjenjalo ke oonyana basemfudusweni. Kwahlulwa ooEzra umbingeleli, namadoda aziintloko zezindlu zooyise ngokwezindlu zooyise, bonke bephela, bebalulwe ngamagama, bahlala phantsi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi ukuyibuza le nto.
10:17b.EZR.010.017 Bayigqiba into yonke yamadoda abezeke abafazi bezinye iintlanga, elusukwini lokuqala lwenyanga yokuqala.
10:18b.EZR.010.018 Koonyana bababingeleli kwafunyanwa ababezeke abafazi bezinye iintlanga: koonyana bakaYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe: ingooMahaseya, noEliyezere, noYaribhi, noGedaliya.
10:19b.EZR.010.019 Banika isandla sabo, ukuba bobakhupha abafazi babo; bathi, benetyala nje, bakhuphe inkunzi yasempahleni emfutshane ngenxa yetyala labo;
10:20b.EZR.010.020 koonyana bakaImere yanguHanani noZebhadiya;
10:21b.EZR.010.021 koonyana bakaHarim yanguMahaseya, noEliya, noShemaya, noYehiyeli, noUziya;
10:22b.EZR.010.022 koonyana bakaPashure yanguEliyohenayi, noMahaseya, noIshmayeli, noNataniyeli, noYozabhadi, noEliyasa;
10:23b.EZR.010.023 nakubaLevi; yanguYozabhadi, noShimehi, noKelaya okwanguKelita, noPetaya, noYuda, noEliyezere;
10:24b.EZR.010.024 kwiimvumi yanguEliyashibhi; kwabamasango yanguShalum, noTelem, noUri;
10:25b.EZR.010.025 kumaSirayeli: koonyana bakaParoshe yanguRamiya, noIziya, noMalekiya, noMiyamin, noElazare, noMalekiya, noBhenaya;
10:26b.EZR.010.026 koonyana bakaElam yanguMataniya, noZekariya, noYehiyeli, noAbhedi, noYeremoti, noEliya;
10:27b.EZR.010.027 koonyana bakaZatu yanguEliyohenayi, noEliyashibhi, noMataniya, noYeremoti, noZabhadi, noAziza;
10:28b.EZR.010.028 nakoonyana bakaBhebhayi yanguYohanan, noHananiya, noZabhadi, noAtelayi;
10:29b.EZR.010.029 koonyana bakaBhani yanguMeshulam, noMaluki, noAdaya, noYashubhi, noShehali, noYeremoti;
10:30b.EZR.010.030 koonyana bakaPahati wakwaMowabhi yanguAdena, noKelali, noBhenaya, noMahaseya, noMataniya, noBhetsaleli, noBhinwi, noManase;
10:31b.EZR.010.031 koonyana bakaHarim yanguEliyezere, noIshiya, noMalekiya, noShemaya, noSimon,
10:32b.EZR.010.032 noBhenjamin, noMaluki, noShemariya;
10:33b.EZR.010.033 koonyana bakaHashum yanguMatenayi, noMatata, noZabhadi, noElifelete, noYeremayi, noManase, noShimehi;
10:34b.EZR.010.034 koonyana bakaBhani yanguMahadayi, noAmram, noUweli,
10:35b.EZR.010.035 noBhenaya, noBhedeya, noKelwi,
10:36b.EZR.010.036 noVaniya, noMeremoti, noEliyashibhi,
10:37b.EZR.010.037 noMataniya, noMatenayi, noYahasavi,
10:38b.EZR.010.038 noBhani, noBhinwi, noShimehi,
10:39b.EZR.010.039 noShelemiya, noNatan, noAdaya,
10:40b.EZR.010.040 noMakenadebhayi, noShashayi, noSharayi,
10:41b.EZR.010.041 noAzareli, noShelemiya, noShemariya,
10:42b.EZR.010.042 noShalum, noAmariya, noYosefu;
10:43b.EZR.010.043 koonyana bakaNabho yanguYehiyeli, noMatitiya, noZabhadi, noZebhina, noYadayi, noYoweli, noBhenaya.
10:44b.EZR.010.044 Bonke abo babezeke abafazi bezinye iintlanga. Bekukho phakathi kwabo abafazi ababezele oonyana.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Ezra (Xhosa). Ezra (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3A0-6