2 Chronicles (Xhosa)
1
1:1b.2CH.001.001 USolomon, unyana kaDavide, womelela ebukumkanini bakhe; uYehova uThixo wakhe waba naye, wamenza mkhulu, wamphakamisa.
1:2b.2CH.001.002 Wathetha uSolomon kumaSirayeli onke, kubathetheli bamawaka nabamakhulu, nakubagwebi, kwizikhulu zonke, kumaSirayeli onke, kwiintloko zezindlu zooyise.
1:3b.2CH.001.003 Baya ke ooSolomon nebandla lonke elo esigangeni esibe siseGibheyon; ngokuba yabe ikhona intente yokuhlangana kaThixo, awayenzayo uMoses umkhonzi kaThixo entlango.
1:4b.2CH.001.004 Ke yona ityeya kaThixo wayeyinyusile uDavide eKiriyati-yeharim, wayisa kuloo ndawo abeyilungisele yona uDavide; ngokuba wayeyimisele intente eYerusalem.
1:5b.2CH.001.005 Isibingelelo sobhedu, abesenzile uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, sasilapho phambi komnquba kaYehova; bamquqela uYehova ooSolomon nebandla kwisibingelelo eso,
1:6b.2CH.001.006 Wenyusa khona uSolomon esibingelelweni sobhedu phambi koYehova, esibe singasententeni yokuhlangana, wenyusa kuso amadini anyukayo aliwaka.
1:7b.2CH.001.007 UThixo wabonakala ngobo busuku kuSolomon, wathi kuye, Cela into, ndikuphe.
1:8b.2CH.001.008 Wathi uSolomon kuThixo, Wena wenze kuDavide ubawo inceba enkulu, wandenza ukumkani esikhundleni sakhe.
1:9b.2CH.001.009 Ke kaloku, Yehova Thixo, malinyaniseke ilizwi lakho owalenza kuDavide ubawo; ngokuba wena undenze ukumkani wabantu abaninzi njengothuli lomhlaba.
1:10b.2CH.001.010 Ndinike kaloku ubulumko nokwazi, ndiphume ndingene phambi kwaba bantu; ngokuba ngubani na onokubalawula aba bantu bakho bangaka?
1:11b.2CH.001.011 Wathi uThixo kuSolomon, Ngenxa enokuba loo nto ibisentliziyweni yakho, akwacela ubutyebi, nenzuzo, nozuko, nobomi beentshaba zakho; kananjalo akwacela imihla emininzi, wasuka wazicelela ubulumko nokwazi, ukuze ubalawule abantu bam, endikwenze ukumkani kubo:
1:12b.2CH.001.012 ubunikiwe ubulumko nokwazi; ndiya kukunika ubutyebi, nenzuzo, nozuko, ekungabangakho unjalo kookumkani ababephambi kwakho, ekungayi kubakho unjalo emva kwakho.
1:13b.2CH.001.013 Wabuya ke uSolomon esigangeni esibe siseGibheyon, weza eYerusalem, esuka phambi kwentente yokuhlangana, waba ngukumkani kumaSirayeli.
1:14b.2CH.001.014 USolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa namahashe akhwelwayo; waba newaka elinamakhulu amane eenqwelo zokulwa, namawaka alishumi elinamabini amahashe akhwelwayo; wazibeka emizini yeenqwelo, nakukumkani eYerusalem.
1:15b.2CH.001.015 Ukumkani wayenza isilivere negolide yaninzi njengamatye eYerusalem, nemisedare wayenza yanjengemithombe esesihlanjeni, ukuba mininzi.
1:16b.2CH.001.016 Ukuphuma kwamahashe abengakaSolomon eYiputa, lathi igqiza labathengela ukumkani, lathabatha igqiza lawo ngenani elithile.
1:17b.2CH.001.017 Baphuma nenqwelo eYiputa, bayithenga ngamakhulu amathandathu eeshekele zesilivere, nehashe ngekhulu elinamanci mahlanu. Benjenjalo ke bona ngokwabo ukubathuthela amahashe ookumkani bonke bamaHeti nookumkani bama-Aram.
2
2:1b.2CH.002.001 USolomon wacinga ukulakhela indlu igama likaYehova, nokubakhela indlu ubukumkani bakhe.
2:2b.2CH.002.002 USolomon wamisa amashumi osixhenxe amawaka amadoda angabathwali, namashumi asibhozo amawaka amadoda angabaqingqi bamatye, nangabasebenzi bemithi, ezintabeni; nabongameli bawo abangamawaka amathathu anamakhulu mathandathu.
2:3b.2CH.002.003 Wathumela uSolomon kuHiram ukumkani waseTire, wathi, Njengoko wakwenzayo kuDavide ubawo, wathumela kuye imisedare yokuzakhela indlu yokuba ahlale kuyo, yenjenjalo nakum.
2:4b.2CH.002.004 Yabona, ndilakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, ukuba ingcwaliselwe yena, kuqhunyiselwe phambi kwakhe isiqhumiso esiqholiweyo, kucwangciswe ngamaxesha onke ukucwangciswa kwezonka, kunyuswe amadini anyukayo kusasa nangokuhlwa, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo nguYehova uThixo wethu; yeyaphakade loo nto kumaSirayeli.
2:5b.2CH.002.005 Indlu endiyakhayo inkulu; ngokuba mkhulu uThixo wethu koothixo bonke.
2:6b.2CH.002.006 Ngubani na onamandla okumakhela indlu; ngokuba izulu, nezulu lawo amazulu, alimlingene? Ndingubani na ke mna, ukuba ndimakhele indlu, ingaba yeyokuqhumisela phambi kwakhe kodwa?
2:7b.2CH.002.007 Ndithumele ke ngoko indoda enobugcisa ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangemisonto emfusa nebomvu nemsi, ekwaziyo ukukrola ndawonye nabalumkileyo abakum kwaYuda naseYerusalem, abalungiswayo nguDavide ubawo.
2:8b.2CH.002.008 Ndithumele nemisedare, nemisipres, nemialgumi, evela eLebhanon; ngokuba ndiyazi mna ukuba abakhonzi bakho bayakwazi ukugawula imithi eLebhanon. Yabona abakhonzi bam bohamba nabakhonzi bakho,
2:9b.2CH.002.009 bandilungisele imithi emininzi; ngokuba indlu endiyakhayo inkulu ngokubalulekileyo.
2:10b.2CH.002.010 Yabona abaqingqi abo nabasebenzi bemithi, abakhonzi bakho abo, ndobanika ingqolowa ukuba ibe kukudla, iikore ezingamawaka angamashumi mabini, nerhasi iikore ezingamawaka angamashumi mabini, neebhate zewayini ezingamawaka angamashumi mabini, neebhate zeoli ezingamawaka angamashumi mabini.
2:11b.2CH.002.011 UHiram ukumkani waseTire wathumela kuSolomon ngokubhala, wathi, UYehova, ngokubathanda kwakhe abantu bakhe, ukumisile ukuba ube ngukumkani kubo.
2:12b.2CH.002.012 Wathi uHiram, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, owenza izulu nehlabathi, omnikileyo uDavide ukumkani unyana olumkileyo, owaziyo, oqiqayo, oqondayo, oya kumakhela indlu uYehova, nendlu yobukumkani bakhe.
2:13b.2CH.002.013 Ngoko ndithumela indoda eligcisa, eyaziyo, eqondayo, inkunkqele uHuram,
2:14b.2CH.002.014 unyana wentokazi yasezintombini zakwaDan. Uyise ngumfo waseTire, okwaziyo ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangamatye, nangemithi, nangemisonto emfusa nemsi, nangelinen ecikizekileyo, nangemisonto ebomvu, nokukrola konke, nokuyila zonke iintlobo zomsebenzi awuphathisiweyo, ndawonye nezilumko zakho, nezilumko zenkosi yam, uDavide uyihlo.
2:15b.2CH.002.015 Ingqolowa ke, nerhasi, neoli, newayini, ethethe ngazo inkosi yam, mayizithumele kubakhonzi bayo.
2:16b.2CH.002.016 Ke thina sogawula imithi eLebhanon njengokufuna kwakho konke, siyizise kuwe eYafo ngokuyidadisa elwandle, uyinyuse wena, uyise eYerusalem.
2:17b.2CH.002.017 USolomon wawabala onke amadoda angawasemzini, abe esezweni lamaSirayeli, emva kokubala awawabala ngako uDavide uyise; afumaneka elikhulu elinamanci amahlanu amawaka, elinesithathu samawaka, anamakhulu amathandathu.
2:18b.2CH.002.018 Wamisa amashumi asixhenxe amawaka kuwo aba ngabathwali; namashumi asibhozo amawaka aba ngabasebenzi bemithi, nabaqingqi bamatye ezintabeni; namawaka amathathu anamakhulu amathandathu aba ngabongameli bokusebenzisa abantu.
3
3:1b.2CH.003.001 USolomon waqala ukuyakha indlu kaYehova eYerusalem, entabeni yeMoriya, apho uYehova wabonakala khona kuDavide uyise, endaweni awayilungisayo uDavide, esandeni sikaOrnan umYebhusi.
3:2b.2CH.003.002 Waqala ukwakha ngenyanga yesibini, ngowesibini umhla, ngomnyaka wesine wobukumkani bakhe.
3:3b.2CH.003.003 Siso esi isiseko awasibekayo uSolomon ekuyakheni kwakhe indlu kaThixo; ubude iikubhite ngokomlinganiso omdala bebuziikubhite ezimashumi mathandathu; ububanzi bebuziikubhite ezimashumi mabini.
3:4b.2CH.003.004 Ivaranda, ebingaphambi kobude bendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini, ingangobubanzi bendlu, nokuphakama kwayo kwakuziikubhite ezilikhulu elinamanci mabini; wayaleka ngaphakathi ngegolide ecocekileyo.
3:5b.2CH.003.005 Indlu enkulu wayaleka ngemisipres, wayaleka ke yona ngegolide entle, wenza kuyo amasundu nezidanga.
3:6b.2CH.003.006 Wayivathisa indlu ngamatye anqabileyo ukuyihombisa; igolide leyo ibiyigolide yaseParvayim.
3:7b.2CH.003.007 Wayaleka indlu, imiqadi, nemigubasi, neendonga zayo, neengcango zayo, ngegolide; wakrola iikerubhi ezindongeni.
3:8b.2CH.003.008 Wenza indlu yengcwele kangcwele: ubude bayo, ngangobubanzi bendlu, bebuziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo bebuziikubhite ezimashumi mabini; wayaleka ngegolide entle, ekwiitalente ezimakhulu mathandathu.
3:9b.2CH.003.009 Ubunzima bezikhonkwane bebuziishekele ezimashumi mahlanu zegolide. Wawaleka ngegolide amagumbi aphezulu.
3:10b.2CH.003.010 Wenza endlwini yengcwele kangcwele iikerubhi ezimbini; zakrolwa ukusetyenzwa kwazo; wazaleka ngegolide.
3:11b.2CH.003.011 Amaphiko eekerubhi ubude bawo bebuziikubhite ezimashumi mabini; iphiko elinye beliziikubhite ezintlanu, lada laya kufikelela eludongeni lwendlu; nelinye iphiko beliziikubhite ezintlanu, ukuya kufikelela ephikweni leyesibini ikerubhi.
3:12b.2CH.003.012 Iphiko lenye ikerubhi beliziikubhite ezintlanu, ukuya kufikelela eludongeni lwendlu; nelesibini iphiko beliziikubhite ezintlanu, ukuya kuhlangana nephiko lenye ikerubhi.
3:13b.2CH.003.013 Amaphiko ezo kerubhi oluka iikubhite ezimashumi mabini; zema ngeenyawo, zikhangelise ubuso kuyo indlu.
3:14b.2CH.003.014 Wawenza umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo; wenza iikerubhi kuwo.
3:15b.2CH.003.015 Wenza phambi kwendlu iintsika zambini: zaziikubhite ezimashumi mathathu anantlanu ubude bazo; ingqukuva esemantloko azo ibiziikubhite ezintlanu.
3:16b.2CH.003.016 Wenza izidanga emqaleni, wazibeka emantloko eentsika; wenza ikhulu leerharnate, wazibeka ezidangeni.
3:17b.2CH.003.017 Wazimisa iintsika phambi kwetempile, enye yangasekunene, enye yangasekhohlo; wathi igama leyasekunene nguZinzisayo, negama leyasekhohlo nguMandlakuye.
4
4:1b.2CH.004.001 Wenza isibingelelo sobhedu: baziikubhite ezimashumi mabini ubude baso, baziikubhite ezimashumi mabini ububanzi baso, kwaziikubhite ezilishumi ukuphakama kwaso.
4:2b.2CH.004.002 Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi ukusuka kolunye udini, uye kolunye udini lwalo; lwayinqila ngeenxa zonke, iwaziikubhite ezintlanu ukuphakama kwalo; waziikubhite ezimashumi mathathu umtya ojikeleyo kulo ngeenxa zonke.
4:3b.2CH.004.003 Yangumfuziselo wamathangazana ngaphantsi kodini ngeenxa zonke, alujikeleza ngeenxa zonke: alishumi ekubhitini, aluzunguleza ulwandle, yamibini imikrozo yamathangazana, ityhidiwe ekutyhidweni kwalo.
4:4b.2CH.004.004 Ulwandle lwema phezu kweenkomo ezilishumi elinambini: ezintathu zibheke entla, ezintathu zibheke entshonalanga, ezintathu zibheke ezantsi, ezintathu zibheke empumalanga; ulwandle lubekwe phezu kwazo ngaphezulu, imiva yazo yonke isinge phakathi.
4:5b.2CH.004.005 Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lwaye lungena iibhate ezimawaka mathathu.
4:6b.2CH.004.006 Wenza izitya zokuhlambela zalishumi: wabeka zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, ukuze kuhlanjwe kuzo, kuhlanjululwe into yomsebenzi wedini elinyukayo kuzo; ke lona ulwandle belulolokuze ababingeleli bahlambe kulo.
4:7b.2CH.004.007 Wenza iziphatho zezibane zegolide zalishumi ngokwesiko lazo, wazimisa etempileni: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo.
4:8b.2CH.004.008 Wenza iitafile ezilishumi, wazimisa etempileni: zantlanu ngasekunene, zantlanu ngasekhohlo. Wenza ikhulu lezitya zokutshiza zegolide.
4:9b.2CH.004.009 Wenza intendelezo yababingeleli, nentendelezo enkulu, neengcango zentendelezo; wazaleka iingcango zazo ngobhedu.
4:10b.2CH.004.010 Walubeka ulwandle ngecala lasekunene layo indlu, lwabheka ngasezantsi.
4:11b.2CH.004.011 UHuram wenza iimbiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza. UHuram wagqiba ukuwenza umsebenzi, abewenzela ukumkani uSolomon endlwini kaThixo:
4:12b.2CH.004.012 iintsika zombini, neembumba, neengqukuva ezibe zisemantloko eentsika zombini, neminatha yomibini yokuzunguleza iimbumba zombini zeengqukuva, ezibe zisemantloko eentsika;
4:13b.2CH.004.013 neerharnate ezimakhulu mane zeminatha yomibini; yamibini imikrozo yeerharnate mnatheni mnye, yokuzunguleza iimbumba ezimbini zeengqukuva, ezibe zisezintsikeni zombini.
4:14b.2CH.004.014 Wenza iinqwelwana; wenza nezitya zokuhlambela ezinqwelwaneni.
4:15b.2CH.004.015 Ulwandle lwalunye, lwaneenkomo ezilishumi elinambini ngaphantsi kwalo.
4:16b.2CH.004.016 Neembiza, nemihlakulwana, neefolokhwe, ezo mpahla ke zonke inkunkqele uHuram wazenzela uSolomon, zizezendlu kaYehova, ngobhedu olukhazimlisiweyo.
4:17b.2CH.004.017 Ukumkani wazityhidela kummandla waseYordan emhlabeni oludongwe, phakathi kweSukoti neTseredata.
4:18b.2CH.004.018 Wazenza uSolomon zonke ezo mpahla, zaninzi kakhulu; bada ubunzima bobhedu olo ababa nakufunyanwa.
4:19b.2CH.004.019 Wazenza uSolomon zonke iimpahla zendlu kaThixo, nesibingelelo segolide, neetafile ebe zinezonka zokubonisa,
4:20b.2CH.004.020 neziphatho ezinezibane zazo, ngegolide ethe shinyi, ukuze zivuthe ngokwesiko phambi kwendawo yezihlabo;
4:21b.2CH.004.021 neentyantyambo, nezibane, nezifinyiso zegolide, yona iyigolide eyonke;
4:22b.2CH.004.022 nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neengcedevu zegolide ethe shinyi. Umnyango ke wendlu, iingcango zawo ezingaphakathi zengcwele kangcwele, neengcango zendlu yetempile, zaba zezegolide.
5
5:1b.2CH.005.001 Wagqitywa ke wonke umsebenzi awawenzela indlu kaYehova uSolomon. USolomon wazingenisa izinto abezingcwalisile uDavide uyise, nesilivere, negolide, nempahla yonke, wazibeka ebuncwaneni bendlu kaThixo.
5:2b.2CH.005.002 Waza uSolomon wawabizela ndawonye amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezizwe, nezikhulu zezindlu zooyise zakoonyana bakaSirayeli, eYerusalem, ukuba bayinyuse ityeya yomnqophiso kaYehova emzini kaDavide; yiZiyon ke leyo.
5:3b.2CH.005.003 Abizelwa ndawonye kukumkani onke amadoda akwaSirayeli emthendelekweni lowo wenyanga yesixhenxe.
5:4b.2CH.005.004 Eza ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli. Bayithwala abaLevi ityeya,
5:5b.2CH.005.005 bayinyusa ityeya, nentente yokuhlangana, neempahla zonke zengcwele, ezibe zisententeni, bazinyusa ababingeleli nabaLevi.
5:6b.2CH.005.006 Ke ukumkani uSolomon, nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselwe kuye phambi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba zininzi kwazo.
5:7b.2CH.005.007 Bayingenisa ababingeleli ityeya yomnqophiso kaYehova endaweni yayo, endaweni yezihlabo endlwini, engcweleni kangcwele, phantsi kwamaphiko eekerubhi;
5:8b.2CH.005.008 ngokuba iikerubhi zaye ziwolule amaphiko phezu kwendawo yetyeya; iikerubhi zayisithelisa ityeya nezibonda zayo ngaphezulu.
5:9b.2CH.005.009 Zazizide izibonda, zibonakala iincam zezibonda, zivelile etyeyeni phambi kwendawo yezihlabo, azabonakala ngaphandle; zisekhona unanamhla.
5:10b.2CH.005.010 Kwakungekho nto etyeyeni, yayingaloo macwecwe mabini kuphela, wawabekayo kuyo uMoses eHorebhe, oko uYehova wanqophisana noonyana bakaSirayeli ekuphumeni kwabo eYiputa.
5:11b.2CH.005.011 Kwathi ekuphumeni kwababingeleli engcweleni (ngokuba bonke ababingeleli abafumanekayo babezingcwalisile; akaba nakugcinwa amaqela;
5:12b.2CH.005.012 nabaLevi abaziimvumi, bonke bephela bona aba, ooAsafu, noHeman, noYedutun, noonyana babo, nabazalwana babo, bambethe ilinen ecikizekileyo, benamacangci nemirhubhe neehadi, bema ngasempumalanga esibingelelweni, benekhulu elinamanci mabini lababingeleli bevuthela ngamaxilongo);
5:13b.2CH.005.013 kwathi ke abavutheli bamaxilongo neemvumi bavakalisa njengamntu mnye, ngazwi-nye, bedumisa, bebulela kuYehova. Bathi ke bakuphakamisa ilizwi ngamaxilongo, nangamacangci, nangeempahla zokuvuma, nangokumdumisa uYehova, besithi, Ulungile, inceba yakhe ingunaphakade: yesuka indlu yazala lilifu lendlu kaYehova;
5:14b.2CH.005.014 ababingeleli ababa nakuma balungiselele, ngenxa yelifu; ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaThixo.
6
6:1b.2CH.006.001 Waza wathi uSolomon, UYehova wathi uya kuhlala esithokothokweni.
6:2b.2CH.006.002 Mna ke ndikwakhele indlu yokuhlala, indawo yokuba uhlale ngonaphakade.
6:3b.2CH.006.003 Wee guququ ukumkani ngobuso, walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli; lonke ibandla lakwaSirayeli lema.
6:4b.2CH.006.004 Wathi: Makabongwe uYehova uThixo kaSirayeli, owathethayo ngomlomo wakhe kuDavide ubawo, wakuzalisa ngesandla sakhe, esithi,
6:5b.2CH.006.005 Kususela kwimini endabakhuphayo abantu bam ezweni lamaYiputa, andinyulanga mzi ezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba igama lam libe kuyo; andinyulanga ndoda yokuba yinganga yabantu bam amaSirayeli;
6:6b.2CH.006.006 ndanyula iYerusalem, ukuba igama lam libe khona; ndanyula uDavide ukuba abe phezu kwabantu bam amaSirayeli.
6:7b.2CH.006.007 Kwaye kukho entliziyweni kaDavide ubawo ukulakhela indlu igama likaYehova, uThixo kaSirayeli.
6:8b.2CH.006.008 Wathi uYehova kuDavide ubawo, Ngenxa enokuba kwakukho entliziyweni yakho ukuthi ulakhele indlu igama lam, walungisa ngokuthi kubekho entliziyweni yakho oko;
6:9b.2CH.006.009 noko ke indlu yona ayisayi kwakhiwa nguwe. Unyana wakho ophuma esinqeni sakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.
6:10b.2CH.006.010 Ulimisile ke uYehova ilizwi lakhe awalithethayo; ndivelile esikhundleni sikaDavide ubawo, ndahlala etroneni yakwaSirayeli, njengoko wakuthethayo uYehova; ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli;
6:11b.2CH.006.011 ndayibeka khona ityeya, apho ukhona umnqophiso kaYehova, awawenzayo noonyana bakaSirayeli.
6:12b.2CH.006.012 Wema ke uSolomon phambi kwesibingelelo sikaYehova, phambi kwebandla lonke lakwaSirayeli, wazolula izandla zakhe
6:13b.2CH.006.013 (ngokuba uSolomon wayenze itheko lobhedu, walibeka esazulwini sentendelezo, laziikubhite ezintlanu ubude balo, iikubhite ezintlanu ububanzi balo, iikubhite ezintathu ukuphakama kwalo; wema phezu kwalo, waguqa ngamadolo phambi kwebandla lonke lamaSirayeli, wazolulela ezulwini izandla zakhe);
6:14b.2CH.006.014 wathi: Yehova, Thixo kaSirayeli, akukho Thixo unjengawe emazulwini nasehlabathini; ubagcinelayo umnqophiso nenceba abakhonzi bakho, abahamba phambi kwakho ngentliziyo yabo yonke;
6:15b.2CH.006.015 wena umgcineleyo umkhonzi wakho uDavide ubawo oko wakuthethayo kuye, wakuthetha ngomlomo wakho, wakuzalisa ngesandla sakho, njengoko kunjalo namhla.
6:16b.2CH.006.016 Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, mgcinele umkhonzi wakho, uDavide ubawo, oko wakuthethayo kuye, usithi, Ebusweni bam akuyi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yakwaSirayeli: ukuba kodwa bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, bahamba ngomyalelo wam, njengokuba uhambile wena phambi kwam.
6:17b.2CH.006.017 Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, makanyaniseke amazwi akho, owawathethayo kumkhonzi wakho uDavide.
6:18b.2CH.006.018 Gxebe, uThixo angade ahlale nabantu emhlabeni na? Yabona izulu, izulu lawo amazulu, alikulingene; hina ke, yona le ndlu ndiyakhileyo!
6:19b.2CH.006.019 Noko ke kunonelele ukuthandaza komkhonzi wakho nokutarhuzisa kwakhe, Yehova Thixo wam, ukuphulaphule ukumemelela nokuthandaza athandaza ngako umkhonzi wakho phambi kwakho;
6:20b.2CH.006.020 ukuba amehlo akho akhangele kule ndlu imini nobusuku, kwindawo othe uya kulibeka kuyo igama lakho, uphulaphule umthandazo athandaza ngawo umkhonzi wakho kule ndawo.
6:21b.2CH.006.021 Phulaphula ukutarhuzisa komkhonzi wakho, nabantu bakho amaSirayeli, abaya kuthandaza ngako kule ndawo; uve ke wena endaweni ohlala kuyo emazulwini, uve ke, uxolele.
6:22b.2CH.006.022 Xa athe umntu wona ummelwane wakhe, wathwaliswa isifungo, wafungiswa, weza wafunga phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu:
6:23b.2CH.006.023 yiva ke wena emazulwini, wenze ugwebe kubakhonzi bakho, umbuyisele ongendawo, uyibeke indlela yakhe entlokweni yakhe; umgwebele olilungisa, umnike ngokobulungisa bakhe.
6:24b.2CH.006.024 Ukuba bathe abantu bakho amaSirayeli boyiswa ziintshaba zabo kuba bekonile, baza babuya balivuma igama lakho, bathandaza, batarhuzisa phambi kwakho kule ndlu:
6:25b.2CH.006.025 yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, ubabuyisele emhlabeni owawunika bona nooyise.
6:26b.2CH.006.026 Xa lithe izulu lavalwa, akwabakho mvula kuba bekonile, baza bathandaza bekule ndawo, balivuma igama lakho, babuya esonweni sabo, ngokuba ubacinezele:
6:27b.2CH.006.027 yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabakhonzi bakho, abantu bakho amaSirayeli, ngokuba ubafundisa indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo, unise imvula ezweni lakho, olinike abantu bakho ukuba libe lilifa.
6:28b.2CH.006.028 Xa kuthe kwabakho indlala elizweni, xa kuthe kwabakho indyikitya yokufa, xa kuthe kwabakho imbabala, nexoshomba, neenkumbi ezinqunquthayo; xa zithe iintshaba zabangqinga elizweni, emizini yabo; nokuba sisiphi isibetho, nokuba sisiphi isifo esithe sabakho;
6:29b.2CH.006.029 ukuthandaza nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe basazi elowo isibetho sakhe, nesingqala sakhe, bazolulela kule ndlu izandla zabo;
6:30b.2CH.006.030 yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana babantu);
6:31b.2CH.006.031 ukuze bakoyike, bahambe ngeendlela zakho, yonke imihla abahleli ngayo ezweni owalinika oobawo.
6:32b.2CH.006.032 Kananjalo owolunye uhlanga ongengowabantu bakho amaSirayeli, xa athe wavela ezweni elikude ngenxa yegama lakho elikhulu, nesandla sakho esithe nkqi, nengalo yakho eyolukileyo; beza bathandaza bekule ndlu:
6:33b.2CH.006.033 yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, wenze ngako konke athe wakunqula owolunye uhlanga, ukuze zonke izizwe zehlabathi zilazi igama lakho, zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli, zazi ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwa ngegama lakho.
6:34b.2CH.006.034 Xa bathe abantu bakho baphuma, baya kulwa neentshaba zabo, ngendlela obathume ngayo, bathandaza kuwe, bebhekisa kulo mzi uwunyulileyo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho:
6:35b.2CH.006.035 yiva ke emazulwini umthandazo wabo, nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele.
6:36b.2CH.006.036 Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babasa ezweni nokuba likude, nokuba likufuphi;
6:37b.2CH.006.037 baza bakunyamekela oko ngentliziyo kwelo zwe bathinjelwe kulo, babuya batarhuzisa kuwe ezweni lababathimbileyo, besithi, Sonile, sagwenxa, senza okungendawo;
6:38b.2CH.006.038 babuyela kuwe ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, bekwelo zwe labathimbi ababathimbileyo, bathandaza, babhekisa elizweni labo owalinika ooyise, kulo mzi uwunyulileyo, kule ndlu ndiyakhele igama lakho:
6:39b.2CH.006.039 yiva ke emazulwini, endaweni ohlala kuyo, umthandazo wabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele, ubaxolele abantu bakho abakonileyo.
6:40b.2CH.006.040 Kaloku, Thixo wam, makavuleke amehlo akho, iindlebe zakho zibazele ukuthandaza okukule ndawo.
6:41b.2CH.006.041 Kaloku, Yehova Thixo, phakamela endaweni yokuphumla kwakho, wena netyeya yamandla akho. Ababingeleli bakho, Yehova Thixo, mabambathe usindiso, abakho benceba bavuye ngokulungileyo.
6:42b.2CH.006.042 Yehova, Thixo, musa ukumlandulela umthanjiswa wakho: khumbula iinceba owazithembisa uDavide, umkhonzi wakho.
7
7:1b.2CH.007.001 Ke kaloku akugqiba uSolomon ukuthandaza, umlilo welula ezulwini, walidla idini elinyukayo nemibingelelo; ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu.
7:2b.2CH.007.002 Ababingeleli ababa nakungena endlwini kaYehova, ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaYehova.
7:3b.2CH.007.003 Bonke oonyana bakaSirayeli, bakubona ukuhla komlilo, nobuqaqawuli bukaYehova buphezu kwendlu, baguqa, babhekisa ubuso babo emhlabeni phezu kombekelelo wamatye, baqubuda, babulela kuYehova besithi, Ulungile, inceba yakhe ingunaphakade.
7:4b.2CH.007.004 Ukumkani nabantu bonke babingelela imibingelelo phambi koYehova.
7:5b.2CH.007.005 Wabingelela ukumkani uSolomon umbingelelo weenkomo ezimawaka amashumi mabini anamabini, nempahla emfutshane engamawaka alikhulu elinamanci mabini. Bayisungula indlu kaThixo ukumkani nabantu bonke.
7:6b.2CH.007.006 Ababingeleli bema ezigxineni zabo; nabaLevi, beneempahla zokuvuma zikaYehova, awazenzayo uDavide ukumkani ukuba kubulelwe kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe, ekudumiseni kukaDavide ngezandla zabo. Ababingeleli bavuthela amaxilongo phambi kwabo, emi onke amaSirayeli.
7:7b.2CH.007.007 USolomon wawungcwalisa umphakathi wentendelezo ebiphambi kwendlu kaYehova; ngokuba ebenze khona amadini anyukayo, namanqatha emibingelelo yoxolo; ngokuba isibingelelo sobhedu, awasenzayo uSolomon, besingenako ukulilingana lonke idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, namanqatha.
7:8b.2CH.007.008 USolomon wenza ke umthendeleko ngelo xesha iintsuku zasixhenxe enamaSirayeli onke, ibandla elikhulu kunene, elithabathele ekungeneni kweHamati, lesa emlanjeni waseYiputa.
7:9b.2CH.007.009 Benza ngomhla wesibhozo ingqungquthela; ngokuba ukusungulwa kwesibingelelo bakwenza iintsuku zasixhenxe, nomthendeleko iintsuku zasixhenxe.
7:10b.2CH.007.010 Ngomhla wamashumi mabini anantathu wenyanga yesixhenxe, wabandulula abantu; baya ezintenteni zabo bevuya, bechwayithile, ngenxa yokulunga awakwenzayo uYehova kuDavide, nakuSolomon, nakumaSirayeli abantu bakhe.
7:11b.2CH.007.011 Wayigqiba ke uSolomon indlu kaYehova nendlu yokumkani; nento yonke ekwathi qatha entliziyweni kaSolomon ukuba ayenze, endlwini kaYehova nasendlwini yakhe, wayiphumelelisa.
7:12b.2CH.007.012 Wabonakala uYehova kuSolomon ebusuku, wathi kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho; ndizinyulele le ndawo ukuba ibe yindlu yokubingelela.
7:13b.2CH.007.013 Ukuba ndithe ndalivala izulu, akwabakho mvula, ukuba ndithe ndaziwisela umthetho iinkumbi, ukuba zilidle ilizwe, nokuba ndithe ndathumela ebantwini bam indyikitya yokufa;
7:14b.2CH.007.014 bathoba ke abantu bam, ababizwa ngegama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi: ndiya kuva mna emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilise ilizwe labo.
7:15b.2CH.007.015 Kaloku ovuleka amehlo am, iindlebe zam ziwubazele umthandazo wale ndawo.
7:16b.2CH.007.016 Kuba ngoku ndiyinyule, ndayingcwalisa le ndlu, ukuba libe kuyo igama lam kude kuse ephakadeni, abe khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.
7:17b.2CH.007.017 Wena ke, ukuba uthe wahamba phambi kwam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ukuba ukwenze konke endikumiseleyo, uyigcine imimiselo yam, namasiko am:
7:18b.2CH.007.018 ndoyimisa itrone yobukumkani bakho, njengoko ndamenzela umnqophiso ngako uDavide uyihlo, ndisithi, Akuyi kunqunyukelwa ndoda yakulawula kwaSirayeli.
7:19b.2CH.007.019 Ke, ukuba nithe nabuya umva, nayilahla imimiselo yam nemithetho yam, endiyibeke phambi kwenu, naya nakhonza thixo bambi, nabanqula:
7:20b.2CH.007.020 ndobanyothula emhlabeni wam endibanike wona. Nale ndlu, ndiyingcwalisele igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, ndiyenze umzekeliso nento yentsini phakathi kwezizwe zonke.
7:21b.2CH.007.021 Nale ndlu, noko iphezulu nje, bomangaliswa bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu?
7:22b.2CH.007.022 Bathi ke, Kungenxa enokuba bamshiyayo uYehova uThixo wooyise, owabakhupha ezweni lamaYiputa, babambelela thixweni bambi, babanqula, bakhonza bona; kungenxa yoko wabuzisayo bonke obu bubi phezu kwabo.
8
8:1b.2CH.008.001 Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, abesakhe ngayo uSolomon indlu kaYehova neyakhe indlu,
8:2b.2CH.008.002 imizi uHiram abeyinike uSolomon wayakha uSolomon, wababeka khona oonyana bakaSirayeli.
8:3b.2CH.008.003 Waya uSolomon eHamati-tsobha, wayeyisa.
8:4b.2CH.008.004 Wakha iTademore entlango, nemizi yonke engoovimba, awayakhayo eHamati.
8:5b.2CH.008.005 Wakha neBhete-horon engasentla neBhete-horon engasezantsi, imizi enqatyisiweyo leyo, ineendonga neengcango nemivalo;
8:6b.2CH.008.006 neBhahalati, nemizi yonke engoovimba abenayo uSolomon, nemizi yonke yeenqwelo zokulwa, nemizi yabamahashe, nokulangazelela konke kukaSolomon, awakulangazelelayo ukwakha eYerusalem, naseLebhanon, nasezweni lonke lolawulo lwakhe.
8:7b.2CH.008.007 Bonke abantu abaseleyo kumaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ababe bengengabakwaSirayeli;
8:8b.2CH.008.008 koonyana babo abasala emva kwabo ezweni, abo babengagqitywanga ngoonyana bakaSirayeli, uSolomon wabanyula ukuba bafakwe uviko, unanamhla.
8:9b.2CH.008.009 Koonyana bakaSirayeli uSolomon akenzanga makhoboka omsebenzi wakhe; ngokuba babengamadoda okulwa, nabathetheli bakhe, nababusi bakhe, nabathetheli beenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.
8:10b.2CH.008.010 Abo bathetheli babengabongameli awayenabo ukumkani uSolomon; bebengamakhulu amabini anamanci mahlanu, ababenobukhosi ebantwini.
8:11b.2CH.008.011 Ke kaloku uSolomon wayinyusa intombi kaFaro emzini kaDavide, wayisa endlwini abeyakhele; ngokuba ubesithi, Akayi kuhlala umfazi wam endlwini kaDavide, ukumkani wamaSirayeli; ngokuba kungcwele, apho kungene khona ityeya kaYehova.
8:12b.2CH.008.012 Waza uSolomon wanyusa amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sikaYehova, abesakhele phambi kwevaranda;
8:13b.2CH.008.013 ukuba kunyuswe into yemini ngangemini yayo ngokomthetho kaMoses, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo, izihlandlo ezithathu ngomnyaka, emthendelekweni wezonka ezingenagwele, nasemthendelekweni weeveki, nasemthendelekweni weminquba.
8:14b.2CH.008.014 Wawamisa ngokwesiko likaDavide uyise amaqela ababingeleli enkonzweni yawo; nabaLevi wabamisela ezigxineni zabo, ukuba badumise, balungiselele phambi kwababingeleli ngokwento yemini ngemini yayo, nabamasango ngokwamaqela abo kwisango ngesango; ngokuba ubunjalo umthetho kaDavide, umfo wakwaThixo.
8:15b.2CH.008.015 Abatyeka emthethweni wokumkani kubabingeleli nakubaLevi ngemicimbi yonke nangobuncwane.
8:16b.2CH.008.016 Walungiswa ke wonke umsebenzi kaSolomon, kwada kwayiloo mini yasekwa ngayo indlu kaYehova, kwasa nasekugqityweni kwayo; yafezwa indlu kaYehova.
8:17b.2CH.008.017 Waza uSolomon waya e-Etsiyon-gebhere, nase-Eloti, elunxwemeni lolwandle ezweni lakwaEdom.
8:18b.2CH.008.018 UHiram wathumela kuye ngabakhonzi bakhe iinqanawa, nabakhonzi ababelwazi ulwandle; baya kunye nabakhonzi bakaSolomon eOfire, bathabatha khona amakhulu amane anamanci mahlanu eetalente zegolide, bayizisa kukumkani uSolomon.
9
9:1b.2CH.009.001 Ke kaloku ukumkanikazi waseShebha waluva udaba lukaSolomon, weza kumlinga uSolomon ngemibuzo elukhuni eYerusalem, enesihlwele esinzima kunene, neenkamela ezithwele ubulawu, negolide eninzi, namatye anqabileyo. Weza kuSolomon, wathetha naye konke okube kusentliziyweni yakhe.
9:2b.2CH.009.002 USolomon wamtyhilela onke amazwi akhe; akubangakho lizwi lifihlakeleyo kuSolomon, angabanga nako ukumtyhilela lona.
9:3b.2CH.009.003 Wabubona ukumkanikazi waseShebha ubulumko bukaSolomon, nendlu abeyakhile;
9:4b.2CH.009.004 nokudla kwetafile yakhe, neendawo zokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe nezambatho zabo, nabangcamli bakhe nezambatho zabo, nezinyuko zakhe abe enyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.
9:5b.2CH.009.005 Wathi kukumkani, Libe liyinene ilizwi endaliva ezweni lam lezinto zakho, nobulumko bakho.
9:6b.2CH.009.006 Andikholwanga ngamazwi abo, ndada ndeza, abona amehlo am; yabona, ndibe ndingaxelelwanga nesiqingatha esi sobuninzi bobulumko bakho; ulugqithile udaba endibe ndiluvile.
9:7b.2CH.009.007 Anoyolo amadoda akho; banoyolo abakhonzi bakho, abemiyo phambi kwakho ngamaxesha onke, bebuva ubulumko bakho.
9:8b.2CH.009.008 Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleyo, wakubeka etroneni yakhe, ukuba ube ngukumkani kuYehova uThixo wakho, ngokuwathanda kukaThixo wakho amaSirayeli, ukuba awamise ngonaphakade; wakumisa waba ngukumkani kuwo, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.
9:9b.2CH.009.009 Ukumkanikazi wanika ukumkani ikhulu elinamanci amabini eetalente zegolide, nasebulawini into eninzi kunene, namatye anqabileyo; akuzanga kube sabakho bulawu bungangobo, ukumkanikazi waseShebha wabunika ukumkani uSolomon.
9:10b.2CH.009.010 Kananjalo abakhonzi bakaHiram nabakhonzi bakaSolomon, abeza negolide bevela kwaOfire, beza nemialgumi namatye anqabileyo.
9:11b.2CH.009.011 Imialgumi leyo ukumkani wayenza izinyuko zendlu kaYehova, nezendlu yokumkani, neehadi, nemirhubhe yeemvumi; akuzanga kubonwe injalo ngaphambili ezweni lakwaYuda.
9:12b.2CH.009.012 Ke ukumkani uSolomon wamnika ukumkanikazi waseShebha konke ukuthanda kwakhe awakucelayo; kukodwa khona awakuzisayo kukumkani. Wajika ke waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.
9:13b.2CH.009.013 Ke kaloku ukulinganiswa kwegolide, eyeza kuSolomon ngamnyaka mnye, kwaba ngamakhulu amathandathu anamanci amathandathu anesithandathu iitalente zegolide,
9:14b.2CH.009.014 iyodwa eyabarhwebi, nebiziswa ngabathengisi, neyookumkani bonke baseArabhi, neyamabamba elizwe, abezisa igolide nesilivere kuSolomon.
9:15b.2CH.009.015 Ukumkani uSolomon wenza amakhulu amabini amakhaka egolide engumkhando; zangamakhulu amathandathu iishekele zegolide engumkhando, awaleka ngazo khaka linye.
9:16b.2CH.009.016 Wenza amakhulu amathathu eengweletshetshe zegolide engumkhando; zangamakhulu amathathu iishekele zegolide, awaleka ngazo ngweletshetshe-nye. Ukumkani wazibeka endlwini yehlathi laseLebhanon.
9:17b.2CH.009.017 Ukumkani wenza netrone enkulu ngeempondo zeendlovu, wayaleka ngegolide engcwengiweyo.
9:18b.2CH.009.018 Itrone leyo ibinezinyuko ezithandathu; itrone leyo ibinesihlalo seenyawo segolide, ezo nto zibambene nayo; kukho iingalo ngapha nangapha kwendawo yokuhlala, kumi iingonyama ezimbini ecaleni leengalo ezo;
9:19b.2CH.009.019 kumi iingonyama ezilishumi elinambini khona ezinyukweni ezithandathu, ngapha nangapha; akuzanga kwenziwe nto injalo ezikumkanini zonke.
9:20b.2CH.009.020 Yonke impahla yokusela yokumkani uSolomon yabe iyeyegolide, nempahla yonke yendlu yehlathi laseLebhanon yabe iyeyegolide ethe shinyi; isilivere ibingento yakwanto ngemihla kaSolomon.
9:21b.2CH.009.021 Ngokuba ukumkani ubeneenqanawa eziya eTarshishe ndawonye nabakhonzi bakaHiram; zeza kanye ngeminyaka emithathu iinqanawa ezo zaseTarshishe, zithwele igolide, nesilivere, neempondo zeendlovu, neentsimango, neepikoko.
9:22b.2CH.009.022 Wakhula ke ukumkani uSolomon ngaphezu kookumkani bonke bomhlaba ngobutyebi nangobulumko.
9:23b.2CH.009.023 Bonke ookumkani bomhlaba bafuna ubuso bukaSolomon, ukuba beve ubulumko bakhe, awayebubeke entliziyweni yakhe uThixo.
9:24b.2CH.009.024 Bazisa elowo umnikelo wakhe, iimpahla zesilivere neempahla zegolide, nezambatho, nezikrweqe, nobulawu, namahashe, noondlebende, into yeminyaka ngeminyaka.
9:25b.2CH.009.025 USolomon wayenamawaka amane emikhombe yezitali zamahashe neenqwelo, neshumi elinamabini amawaka amahashe akhwelwayo; wawabeka emizini yeenqwelo, nakukumkani eYerusalem.
9:26b.2CH.009.026 Ubelawula ookumkani bonke, ethabathela kuwo uMlambo, azise ezweni lamaFilisti, ezisa nasemdeni waseYiputa.
9:27b.2CH.009.027 Ukumkani wayenza isilivere yanjengamatye eYerusalem, nemisedare wayenza yanjengemithombe esezihlanjeni, ukuba mininzi.
9:28b.2CH.009.028 Bazisa kuSolomon amahashe evela eYiputa, evela emazweni onke.
9:29b.2CH.009.029 Ezinye izinto zikaSolomon, ezokuqala nezokugqibela, azibhalwanga na emicimbini kaNatan umprofeti, naseziprofetweni zika-Ahiya waseShilo, nasemibonweni kaIdo imboni, ngoYarobheham unyana kaNebhati?
9:30b.2CH.009.030 USolomon wayengukumkani kumaSirayeli onke eYerusalem iminyaka emashumi mane.
9:31b.2CH.009.031 USolomon walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide uyise; uRehabheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
10
10:1b.2CH.010.001 URehabheham waya kwaShekem; ngokuba amaSirayeli onke abeye kumenza ukumkani kwaShekem.
10:2b.2CH.010.002 Kwathi, akuva uYarobheham unyana kaNebhati (eseYiputa, apho wayebalekele khona ebusweni bukaSolomon ukumkani; ehleli uYarobheham eYiputa, bathumela bambiza),
10:3b.2CH.010.003 weza uYarobheham namaSirayeli onke, bathetha noRehabheham, besithi,
10:4b.2CH.010.004 Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu; ke wena yenze lula inkonzo elukhuni kayihlo, nedyokhwe yakhe enzima awayibeka phezu kwethu, sikukhonze.
10:5b.2CH.010.005 Wathi kubo, Khanindikhwelele iintsuku zibe ntathu, nibuye nize kum. Bemka ke abantu.
10:6b.2CH.010.006 Ukumkani uRehabheham wacebisana namadoda amakhulu, abesakuma phambi koSolomon uyise oko ebesahleli, wathi, Ninika cebo lini na, ukuba ndibanike ilizwi aba bantu?
10:7b.2CH.010.007 Athetha ke kuye esithi, Ukuba uthe wanobubele kwaba bantu, wabakholisa, wathetha amazwi amahle kubo, bokukhonza yonke imihla.
10:8b.2CH.010.008 Walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona, wacebisana namadodana aziintanga zakhe, abemi phambi kwakhe.
10:9b.2CH.010.009 Wathi kuwo, Ninika cebo lini na nina, ukuba sibanike ilizwi aba bantu bathethileyo kum, besithi. Yenze lula idyokhwe awayibeka phezu kwethu uyihlo?
10:10b.2CH.010.010 Athetha ke naye amadodana aziintanga zakhe, esithi, Yithi kubantu abathethe kuwe, besithi, Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, yenze lula kuthi wena; yithi kubo, Ucikicane wam uya kuba nesibili kunesinqe sikabawo;
10:11b.2CH.010.011 ke, ekubeni ubawo ubenithwalise idyokhwe enzima, mna ke ndiya kongeza edyokhweni yenu; ubawo ubenibetha ngeentsontelo, ke mna ndiya kunibetha ngeekatsi.
10:12b.2CH.010.012 Baya ke ooYarobheham nabantu bonke kuRehabheham ngomhla wesithathu, njengoko wayethethe ngako ukumkani, esithi, Nobuya nize kum ngomhla wesithathu.
10:13b.2CH.010.013 Ukumkani wabaphendula kalukhuni; ukumkani uRehabheham walishiya icebo lamadoda amakhulu.
10:14b.2CH.010.014 Wathetha kubo ngokwecebo lamadodana, esithi, Ubawo wayenza nzima idyokhwe yenu, mna ke ndiya kongeza kuyo; ubawo wanibetha ngeentsontelo, ke mna ndiya kunibetha ngeekatsi.
10:15b.2CH.010.015 Akabaphulaphulanga ke abantu ukumkani; ngokuba esi siphendu sibe siphuma kuThixo, ukuze uYehova alimise ilizwi lakhe, abelithethile ngoAhiya waseShilo kuYarobheham unyana kaNebhati.
10:16b.2CH.010.016 Akubona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Asinalifa kunyana kaYese; elowo makaye ententeni yakhe, maSirayeli; zikhangelele ngoku indlu yakho, Davide. Aya ezintenteni zawo ke amaSirayeli onke.
10:17b.2CH.010.017 Ke oonyana bakaSirayeli, ababehleli emizini yakwaYuda, uRehabheham waba ngukumkani kubo.
10:18b.2CH.010.018 Ukumkani uRehabheham wathuma uAdoram, obephethe abafakwa uviko. Besuka oonyana bakaSirayeli, bamxuluba ngamatye, wafa. Ukumkani uRehabheham wakhawuleza waya kukhwela enqwelweni yakhe, ukuba asabele eYerusalem.
10:19b.2CH.010.019 Akreqa ke amaSirayeli endlwini kaDavide, unanamhla.
11
11:1b.2CH.011.001 Weza uRehabheham eYerusalem, wabizela ndawonye indlu yakwaYuda neyakwaBhenjamin, ikhulu elinamanci asibhozo amawaka amadodana okulwa imfazwe, ukuba aye kulwa namaSirayeli, bubuyiselwe ubukumkani kuRehabheham.
11:2b.2CH.011.002 Lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, umfo wakwaThixo, lisithi,
11:3b.2CH.011.003 Yitsho kuRehabheham unyana kaSolomon, ukumkani wakwaYuda, nakumaSirayeli onke, kwaYuda nakwaBhenjamin, ukuthi,
11:4b.2CH.011.004 Utsho uYehova ukuthi, Ize ninganyuki; ize ningalwi nabazalwana benu. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphume kum le nto. Baliphulaphula izwi likaYehova, babuya ekuyeni kulwa noYarobheham.
11:5b.2CH.011.005 Wahlala uRehabheham eYerusalem, wakha imizi yokunqabisa kwaYuda.
11:6b.2CH.011.006 Wakha iBhetelehem, ne-Etam, neTekowa,
11:7b.2CH.011.007 neBhete-tsure, neSoko, neAdulam,
11:8b.2CH.011.008 neGati, neMaresha, neZifi,
11:9b.2CH.011.009 neAdorayim, neLakishe, neAseka,
11:10b.2CH.011.010 neTsora, neAyalon, nowaseHebron, ekwaYuda nekwaBhenjamin, imizi enqatyisiweyo.
11:11b.2CH.011.011 Waziqinisa iinqaba, wabeka iinganga zamadoda kuzo, noovimba bokudla neoli newayini.
11:12b.2CH.011.012 Nakwimizi ngemizi yonke wabeka amakhaka, nezikhali; wayiqinisa kakhulu kunene. Aba kuye amaYuda namaBhenjamin.
11:13b.2CH.011.013 Ababingeleli nabaLevi ababekwelakwaSirayeli lonke bathelela kuye, bevela emideni yabo yonke.
11:14b.2CH.011.014 Ngokuba abaLevi bawashiya amadlelo abo, nemfuyo yabo, beza kwaYuda naseYerusalem; ngokuba uYarobheham noonyana bakhe babebakhuphile, ukuba bangabi ngababingeleli kuYehova;
11:15b.2CH.011.015 wazimisela ababingeleli beziganga, nabamaxhonti, nabamathole awawenzayo.
11:16b.2CH.011.016 Emva kwabo ke, ezizweni zonke zakwaSirayeli, bathi abazinikelayo iintliziyo zabo ukumquqela uYehova uThixo kaSirayeli, beza kubingelela eYerusalem kuYehova, uThixo wooyise.
11:17b.2CH.011.017 Babuzinzisa ubukumkani bukaYuda, bamomeleza uRehabheham unyana kaSolomon iminyaka emithathu; ngokuba bahamba ngendlela kaDavide noSolomon iminyaka emithathu.
11:18b.2CH.011.018 Ke kaloku uRehabheham wazeka uMahalati, intombi kaYerimoti unyana kaDavide, noAbhihayile, intombi kaEliyabhi unyana kaYese;
11:19b.2CH.011.019 wamzalela oonyana: ooYehushe, noShemariya, noZaham.
11:20b.2CH.011.020 Emva kwakhe wazeka uMahaka intombi ka-Abhisalom; wamzalela uAbhiya, noAtayi, noZiza, noShelomiti.
11:21b.2CH.011.021 URehabheham wathanda uMahaka intombi ka-Abhisalom, ngaphezu kwabafazi bakhe bonke namashweshwe akhe (ngokuba ubenabafazi abalishumi elinesibhozo, namashweshwe angamashumi amathandathu; wazala oonyana abamashumi mabini anesibhozo, neentombi ezimashumi mathandathu).
11:22b.2CH.011.022 URehabheham wamisa uAbhiya unyana kaMahaka, ukuba abe yinkulu, abe yinganga phakathi kwabazalwana bakhe; ngokuba ubecinga ukumenza ukumkani.
11:23b.2CH.011.023 Wenza ngengqondo, wabathi saa oonyana bakhe bonke emazweni onke akwaYuda nakwaBhenjamin, emizini yonke enqatyisiweyo, wabanika ukudla okuninzi, wabafunela into eninzi yabafazi.
12
12:1b.2CH.012.001 Kwathi bakubon ukuba buzinzile ubukumkani bukaRehabheham, akomelela, wawushiya umyalelo kaYehova, namaSirayeli onke kunye naye.
12:2b.2CH.012.002 Kwathi, ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki ukumkani waseYiputa, wayingenela iYerusalem, ngokuba bebemenezile kuYehova;
12:3b.2CH.012.003 enewaka elinamakhulu amabini eenqwelo zokulwa, namawaka angamashumi omathandathu abamahashe, nabantu abangenakubalwa, abaphuma naye eYiputa, amaLubhi, namaSuki, namaKushi.
12:4b.2CH.012.004 Wayithimba imizi enqatyisiweyo ekwaYuda, wafika naseYerusalem.
12:5b.2CH.012.005 Weza uShemaya umprofeti kuRehabheham, nakubathetheli bakwaYuda ababehlanganisene eYerusalem ngenxa kaShishaki, wathi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Nina nandishiya, nam ndinishiyile, ndaninikela esandleni sikaShishaki.
12:6b.2CH.012.006 Bazithoba abathetheli bamaSirayeli nokumkani, bathi, Ulilungisa uYehova.
12:7b.2CH.012.007 Akubona uYehova ukuba bazithobile, lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, lisithi, Bazithobile; andiyi kubonakalisa; ndiya kubanika ukusinda ixeshana, bungathululelwa ubushushu bam eYerusalem ngesandla sikaShishaki.
12:8b.2CH.012.008 Noko boba ngabakhonzi kuye, ukuze bayazi inkonzo yam, nenkonzo yezikumkani zamazwe.
12:9b.2CH.012.009 Wenyuka ke ukumkani waseYiputa, wafika walwa neYerusalem, wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.
12:10b.2CH.012.010 Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi, ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani.
12:11b.2CH.012.011 Ubesakuthi akungena ukumkani endlwini kaYehova, zize izigidimi ezo ziziphethe, zize zizibuyisele egumbini lezigidimi.
12:12b.2CH.012.012 Wathi akuzithoba, umsindo kaYehova wabuya kuye, ukuba angamtshabalalisi kuthi tu; kananjalo kwaYuda kwakukho izinto ezilungileyo.
12:13b.2CH.012.013 Waziqinisa ukumkani uRehabheham eYerusalem, waba ngukumkani; ngokuba uRehabheham ebeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi lowo wawunyulayo uYehova kwizizwe zonke zakwaSirayeli, ukuba alimise khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.
12:14b.2CH.012.014 Wenza okubi, ngokuba ebengayibhekiselelanga intliziyo yakhe ukumquqela uYehova.
12:15b.2CH.012.015 Izinto zikaRehabheham, ezokuqala nezokugqibela, azibhalwanga na emicimbini kaShemaya umprofeti noIdo imboni, ngokokubhalwa kwemilibo yokuzalwa? Yayiziimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham imihla yonke.
12:16b.2CH.012.016 URehabheham walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide; uAbhiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
13
13:1b.2CH.013.001 Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYarobheham, uAbhiya waba ngukumkani kwaYuda.
13:2b.2CH.013.002 Waba neminyaka emithathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMikaya, intombi kaUriyeli waseGibheha. Kwabakho imfazwe phakathi koAbhiya noYarobheham.
13:3b.2CH.013.003 UAbhiya wayiqala imfazwe ngempi yamagorha okulwa, engamakhulu amane amawaka ahleliweyo; uYarobheham naye wazakha izintlu zakhe zokulwa naye, zingamakhulu asibhozo amawaka ahleliweyo, angamagorha anobukroti.
13:4b.2CH.013.004 Wesuka wema uAbhiya entabeni yeTsemarim, ekweleentaba lakwaEfrayim, wathi, Ndiphulaphuleni, wena Yarobheham, nani maSirayeli nonke;
13:5b.2CH.013.005 aninakwazi na ukuba uYehova, uThixo kaSirayeli, ubukumkani kumaSirayeli wabunika uDavide ngonaphakade, yena noonyana bakhe, ngomnqophiso wetyuwa?
13:6b.2CH.013.006 Wesuka uYarobheham unyana kaNebhati, umkhonzi kaSolomon unyana kaDavide, wagwilika kwinkosi yakhe;
13:7b.2CH.013.007 wabuthela kuye amadoda angenabuntu, angamatshijolo, aziqinisa, amchasa uRehabheham unyana kaSolomon; uRehabheham engumfana ontliziyo ithambileyo, engomelele phambi kwabo.
13:8b.2CH.013.008 Ngoku ke nithi niya komelela phambi kobukumkani bukaYehova, obusesandleni soonyana bakaDavide; niyingxokolo eninzi nje, ninamathole egolide, awanenzelayo uYarobheham ukuba abe ngoothixo.
13:9b.2CH.013.009 Anibagxothanga yini na ababingeleli bakaYehova, oonyana baka-Aron, nabaLevi; nazenzela ababingeleli njengezizwe zamanye amazwe? bada bonke abo baza kuzimisela ngenkunzi elithole lenkomo, neenkunzi zeegusha ezisixhenxe, benziwa ababingeleli kwabangethixo.
13:10b.2CH.013.010 Ke thina, nguYehova uThixo wethu: asimshiyanga; ababingeleli abalungiselela kuYehova ngoonyana baka-Aron;
13:11b.2CH.013.011 nabaLevi basemsebenzini wabo, beqhumisela kuYehova ngamadini anyukayo imiso ngemiso, ukuhlwa ngokuhlwa, nangesiqhumiso esimnandi; nokucwangcisa izonka etafileni ehlambululekileyo; nesiphatho segolide, nezibane sazo zilunyekwa ukuhlwa ngokuhlwa; ngokuba thina siyasigcina isigxina sikaYehova uThixo wethu; ke nina nimshiyile.
13:12b.2CH.013.012 Niyabona, unathi eyintloko uThixo, nababingeleli bakhe banathi, namaxilongo okuduma, ukuba anivuse. Nyana bakaSirayeli, musani ukulwa noYehova uThixo wooyihlo; ngokuba aniyi kuba nampumelelo.
13:13b.2CH.013.013 Ke uYarobheham wazungulezisa abalaleli, ukuba baye ngasemva kwawo; baba ngaphambi kwamaYuda bona; abalaleli baba ngasemva kwawo.
13:14b.2CH.013.014 Abheka amaYuda, ayibona impi ingaphambili nangasemva kwawo. Akhala kuYehova, ababingeleli bevuthela amaxilongo; aduma onke amadoda akwaYuda.
13:15b.2CH.013.015 Kwathi ekudumeni kwamadoda akwaYuda, wesuka uThixo wabetha kuYarobheham namaSirayeli onke phambi koAbhiya namaYuda.
13:16b.2CH.013.016 Basaba oonyana bakaSirayeli ebusweni bamaYuda; uThixo wabanikela esandleni sawo.
13:17b.2CH.013.017 UAbhiya nabantu bakhe bababulala kakhulu; kwawa ababuleweyo kwaSirayeli amakhulu amahlanu amawaka amadoda ahleliweyo.
13:18b.2CH.013.018 Bathotywa ke oonyana bakaSirayeli ngelo xesha, bakhalipha oonyana bakaYuda; ngokuba bayama ngoYehova uThixo wooyise.
13:19b.2CH.013.019 UAbhiya wamsukela uYarobheham, wathimba kuye le mizi: iBheteli namagxamesi ayo, neYeshana namagxamesi ayo, ne-Efron namagxamesi ayo.
13:20b.2CH.013.020 Akaba saba namandla uYarobheham ngemihla ka-Abhiya. UYehova wambetha wafa.
13:21b.2CH.013.021 Waya esomelela ngokomelela uAbhiya, wazeka abafazi abalishumi elinabane, wazala oonyana abamashumi mabini anababini, neentombi ezilishumi elinantandathu.
13:22b.2CH.013.022 Ezinye izinto zika-Abhiya, neendlela zakhe, namazwi akhe, abhalwe ezincwadini zamabali omprofeti uIdo.
14
14:1b.2CH.014.001 UAbhiya walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; ke uAsa unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.
14:2b.2CH.014.002 UAsa wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe.
14:3b.2CH.014.003 Wazisusa izibingelelo neziganga zezithixo zolunye uhlanga; waziqhekeza izimiso zamatye, wabagawula ooAshera.
14:4b.2CH.014.004 Wathi kumaYuda makamquqele uYehova, uThixo wooyise, awenze umyalelo nomthetho.
14:5b.2CH.014.005 Wazisusa ke emizini yonke yakwaYuda iziganga, neentsika zelanga; bazola ubukumkani phambi kwakhe.
14:6b.2CH.014.006 Wakha imizi enqatyisiweyo kwaYuda; ngokuba ilizwe belizolile, kungekho mfazwe ayilwayo ngaloo minyaka; ngokuba uYehova wayemphumzile.
14:7b.2CH.014.007 Wathi ke kumaYuda, Masiyakhe le mizi, siyijikeleze ngeendonga neenqaba ezinde, senze iingcango nemivalo, lisephambi kwethu nje ilizwe; ngokuba simquqele uYehova uThixo wethu samquqela, wasiphumza ke ngeenxa zonke. Bayakha baba nempumelelo.
14:8b.2CH.014.008 Ke kaloku uAsa wayenempi ephatha amakhaka nezikhali: kwaYuda ingamakhulu amathathu amawaka; nakwaBhenjamin, abaphatha iingweletshetshe nabatyeda izaphetha babengamakhulu, amabini anamanci asibhozo amawaka. Bonke abo babengamagorha anobukroti.
14:9b.2CH.014.009 Kwaphuma kwaza kulwa nabo uZera umKushi, enempi eliwaka lamawaka, neenqwelo zokulwa ezimakhulu mathathu; wada weza eMaresha.
14:10b.2CH.014.010 Waphuma uAsa esiya kumhlangabeza, bakha izintlu emfuleni weTsefata eMaresha.
14:11b.2CH.014.011 UAsa wabiza kuYehova uThixo wakhe, wathi, Yehova, akukho bani ingenguwe onokunceda phakathi konamandla nongenawo. Sincede, Yehova, Thixo wethu; ngokuba sayame ngawe, size kule ngxokolo egameni lakho. Yehova, unguThixo wethu, makangabi namandla umntu okumelana nawe.
14:12b.2CH.014.012 UYehova wawaxabela amaKushi phambi koAsa, naphambi kwamaYuda; asaba ke amaKushi.
14:13b.2CH.014.013 UAsa nabantu ababenaye bawasukela, bada besa eGerare; oyiswa amaKushi ngokokude angabi nakubuya aphethule; ngokuba aqotywa phambi koYehova, naphambi komkhosi wakhe; bemka nexhoba elininzi kunene.
14:14b.2CH.014.014 Bayingenela yonke imizi ngeenxa zonke eGerare; ngokuba yafikelwa kukunkwantyiswa nguYehova. Bayiphanga yonke imizi; ngokuba amaxhoba ayemaninzi kuyo.
14:15b.2CH.014.015 Batshabalalisa neentente zemfuyo, bathimba impahla emfutshane yaninzi, neenkamela; babuya ke baya eYerusalem.
15
15:1b.2CH.015.001 UMoya kaThixo wamfikela uAzariya, unyana kaOdede.
15:2b.2CH.015.002 Waphuma, esiya kukhawulela uAsa, wathi kuye, Ndiphulaphuleni, Asa, nani nonke maYuda namaBhenjamin; uYehova unani ekubeni ninaye; ukuba nithe namquqela, nomfumana; ukuba nithe namshiya, wonishiya nani.
15:3b.2CH.015.003 AmaSirayeli ayenemihla emininzi engenaThixo wenyaniso, engenambingeleli uyalayo, engenamthetho.
15:4b.2CH.015.004 Ke athi ekubandezelekeni kwawo, akubuyela kuYehova, uThixo kaSirayeli, ukuba amquqele, amfumana.
15:5b.2CH.015.005 Ngaloo maxesha kwakungekho luxolo kophumayo nakongenayo, zaba ziziphithiphithi ezikhulu kubemi bonke bamazwe.
15:6b.2CH.015.006 Uhlanga lwaqotywa luhlanga, umzi ngumzi; ngokuba uThixo wabadubaduba ngeembandezelo zonke.
15:7b.2CH.015.007 Ke nina yomelelani; mazingawi izandla zenu; ngokuba umsebenzi wenu unomvuzo.
15:8b.2CH.015.008 Wathi uAsa, akuweva loo mazwi nesiprofeto sikaOdede umprofeti, womelela, wazikhwelelisa zonke izinto ezinezothe ezweni lonke lakwaYuda nelakwaBhenjamin, nasemizini abeyithimbile kweleentaba lakwaEfrayim; wasihlaziya isibingelelo sikaYehova, esiphambi kwevaranda kaYehova.
15:9b.2CH.015.009 Wawahlanganisa onke amaYuda namaBhenjamin nabasemzini ababekuwo, bakwaEfrayim, nabakwaManase, nabakwaSimon; ngokuba bagalela kuye abakwaSirayeli babaninzi, bakubona ukuba uYehova uThixo wakhe unaye.
15:10b.2CH.015.010 Babuthelana ke eYerusalem ngenyanga yesithathu, ngomnyaka weshumi elinesihlanu wobukumkani buka-Asa,
15:11b.2CH.015.011 babingelela kuYehova ngaloo mhla, bethabatha kumaxhoba ababeze nawo: amakhulu asixhenxe eenkomo, namawaka asixhenxe empahla emfutshane.
15:12b.2CH.015.012 Benza umnqophiso wokumquqela uYehova, uThixo wooyise, ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke; bathi,
15:13b.2CH.015.013 Bonke abasukuba bengamquqeli uYehova, uThixo kaSirayeli, mababulawe, kuthabathele komncinane kuse komkhulu; kuthabathele kwindoda kuse kwinkazana.
15:14b.2CH.015.014 Bafunga kuYehova ngezwi elikhulu, nangokuduma, nangamaxilongo, nangezigodlo.
15:15b.2CH.015.015 Asivuyela onke amaYuda isifungo eso; ngokuba afunga ngentliziyo yawo yonke, amquqela ngemvume yawo yonke, amfumana; uYehova wawaphumza ngeenxa zonke.
15:16b.2CH.015.016 Kananjalo ukumkani wamguzula uMahaka unina, ukuba angabi saba yinkosikazi; ngokokuba wayemenzele uAshera isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasixhaxha isithixo sakhe, wasithi vithivithi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.
15:17b.2CH.015.017 Ke iziganga azisuswanga kwaSirayeli; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe igqibelele yonke imihla yakhe.
15:18b.2CH.015.018 Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezinto zakhe ezingcwele, endlwini kaThixo, isilivere, negolide, nempahla.
15:19b.2CH.015.019 Akwaba sabakho mfazwe, kwada kwaba ngumnyaka wamashumi amathathu anesihlanu wobukumkani buka-Asa.
16
16:1b.2CH.016.001 Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithandathu wobukumkani buka-Asa, wenyuka uBhahesha ukumkani wamaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wayakha iRama, ukuze angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda.
16:2b.2CH.016.002 Wayirhola ke uAsa isilivere negolide ebuncwaneni bendlu kaYehova, nobendlu yokumkani, wazithumela kuBhen-hadade ukumkani wama-Aram, ohleli eDamasko, esithi,
16:3b.2CH.016.003 Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe, phakathi kobawo noyihlo; nanko ndikuthumele isilivere negolide; yiya uwaphule umnqophiso wakho noBhahesha ukumkani wamaSirayeli, ukuba emke kum.
16:4b.2CH.016.004 UBhen-hadade wamphulaphula ukumkani uAsa, wathumela abathetheli bempi abenabo emizini yakwaSirayeli, wayithimba i-Iyon, nowakwaDan, neAbhele-mayim, nemizi yonke engoovimba yakwaNafetali.
16:5b.2CH.016.005 Kwathi, akuva uBhahesha, wayeka ukuyakha iRama, wawuyeka umsebenzi wakhe.
16:6b.2CH.016.006 UAsa ukumkani wawathabatha onke amaYuda; awasusa amatye eRama, nemithi yayo, awayesakha ngayo uBhahesha; wakha ke ngayo iGebha neMizpa.
16:7b.2CH.016.007 Ngelo xesha uHanani, imboni, weza kuAsa, ukumkani wamaYuda, wathi kuye, Ekubeni wayama kukumkani wama-Aram, akwayama kuYehova uThixo wakho, ngoko ke iphulukile esandleni sakho impi yokumkani wama-Aram.
16:8b.2CH.016.008 AmaKushi namaLubhi abengeyeyona impi ininzi, enento eninzi kunene yeenqwelo zokulwa nabamahashe? Ukanti ngokuba wayama kuYehova, anikelwa esandleni sakho.
16:9b.2CH.016.009 Ngokuba uYehova, amehlo akhe asingasinga ehlabathini lonke, ukuba azomelezele abantliziyo ziphelele kuye. Wenza ubudenge ngale nto; ngokuba kususela ngoku woba neemfazwe.
16:10b.2CH.016.010 UAsa wayiqumbela imboni leyo, wayifaka endlwini yesitokisi; ngokuba wayeyijalele ngale nto. UAsa wayicinezela inxenye yabantu ngelo xesha.
16:11b.2CH.016.011 Yabona, izinto zika-Asa, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.
16:12b.2CH.016.012 Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba wobukumkani bakhe, uAsa wayesifa ziinyawo, sada senyuka isifo sakhe; kananjalo esifeni sakhe akamquqelanga uYehova, waquqela amagqirha.
16:13b.2CH.016.013 UAsa walala kooyise; wafa ngomnyaka wamashumi omane anamnye wobukumkani bakhe.
16:14b.2CH.016.014 Bamngcwabela engcwabeni lakhe, awazimbelayo emzini kaDavide, bamlalisa esililini esizele bubulawu, iintlobo ngeentlobo, ezenziwe ubuqholo ngobugcisa babaqholi; bamenzela ibaso elikhulu kunene.
17
17:1b.2CH.017.001 UYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; womelela, wawachasa amaSirayeli.
17:2b.2CH.017.002 Wabeka imikhosi emizini yonke enqatyisiweyo yakwaYuda, wamisa iikampu elizweni lakwaYuda, nasemizini yakwaEfrayim, awayithimbayo uAsa uyise.
17:3b.2CH.017.003 UYehova waba noYehoshafati; ngokuba wahamba ngeendlela zikaDavide uyise, ezokuqala zona; akabaquqela ooBhahali;
17:4b.2CH.017.004 ke waquqela uThixo kayise, wahamba ngemithetho yakhe; akahamba ngezenzo zakwaSirayeli.
17:5b.2CH.017.005 UYehova wabuzinzisa ubukumkani bakhe esandleni sakhe; onke amaYuda azisa iminikelo kuYehoshafati; waba nobutyebi nozuko ngokukhulu.
17:6b.2CH.017.006 Yaphakama intliziyo yakhe ezindleleni zikaYehova; kananjalo wazisusa iziganga nooAshera kwaYuda.
17:7b.2CH.017.007 Ngomnyaka wesithathu wokuba ngukumkani kwakhe, wabathumela abathetheli bakhe, uBhen-hayile, no-Obhadiya, noZekariya, noNataniyeli, noMikaya, ukuba bafundise emizini yakwaYuda;
17:8b.2CH.017.008 benabaLevi, uShemaya, noNetaniya, noZebhadiya, noAsaheli, noShemiramoti, noYehonatan, noAdoniya, noTobhiya, noTobhadoniya, abaLevi ke abo; benoElishama noYehoram ababingeleli.
17:9b.2CH.017.009 Bafundisa ke kwaYuda, benencwadi yomyalelo kaYehova, bayijikeleza imizi yonke yakwaYuda, bebafundisa abantu.
17:10b.2CH.017.010 Zonke izikumkani zamazwe ajikeleze amaYuda zangenelwa kukoyika uYehova, azalwa noYehoshafati.
17:11b.2CH.017.011 NakumaFilisti babekho abazisa iminikelo nemithwalo kuYehoshafati yesilivere; kananjalo ama-Arabhi azisa kuye impahla emfutshane, amawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeegusha, namawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeebhokhwe.
17:12b.2CH.017.012 UYehoshafati waya eba mkhulu ngokuba mkhulu, wada wenyuka wakha kwaYuda iinqaba nemizi engoovimba.
17:13b.2CH.017.013 Waye enempahla eninzi emizini yakwaYuda; wayenamadoda okulwa, amagorha anobukroti, eYerusalem.
17:14b.2CH.017.014 Kuko oku ukulandelana kwawo ngokwezindlu zooyise: kwaYuda abathetheli bamawaka nguAdena umthetheli, enamakhulu amathathu amawaka amagorha anobukroti;
17:15b.2CH.017.015 nganeno kwakhe nguYehohanan umthetheli, enamakhulu amabini anamanci asibhozo amawaka;
17:16b.2CH.017.016 nganeno kwakhe nguAmasiya unyana kaZikri, owazinikela kuYehova ngokuqhutywa yintliziyo, enamakhulu amabini amawaka amagorha anobukroti.
17:17b.2CH.017.017 KumaBhenjamin nguEliyada, igorha elinobukroti, enamakhulu amabini amawaka axhobe izaphetha neengweletshetshe;
17:18b.2CH.017.018 nganeno kwakhe nguYozabhadi, enekhulu elinamanci asibhozo amawaka axhobele imfazwe.
17:19b.2CH.017.019 Ngabo abo babekhonza kukumkani; bebodwa abamisiweyo ngukumkani emizini enqatyisiweyo kwelakwaYuda lonke.
18
18:1b.2CH.018.001 Ke uYehoshafati ube enobutyebi nozuko ngokukhulu, wazekelana noAhabhi.
18:2b.2CH.018.002 Wehla ekupheleni kweminyaka ethile, waya kuAhabhi kwaSamari. UAhabhi wamxhelela impahla emfutshane neenkomo ezininzi, waxhelela nabantu abenabo, wamcenga ukuba anyuke naye aye eRamoti yaseGiliyadi.
18:3b.2CH.018.003 Wathi uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati ukumkani wakwaYuda, Wohamba na nam, siye kulwa neRamoti yaseGiliyadi? Wathi kuye, Ndinjengawe, abantu bam banjengabantu bakho; soya nawe ekulweni.
18:4b.2CH.018.004 Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuzise elanamhla ilizwi likaYehova.
18:5b.2CH.018.005 Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, amakhulu amane amadoda, wathi kubo, Siye kulwana neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka, uThixo woyinikela esandleni sokumkani.
18:6b.2CH.018.006 Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye?
18:7b.2CH.018.007 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuYehova, ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi imihla yayo yonke; nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani.
18:8b.2CH.018.008 Waza ukumkani wakwaSirayeli wabiza umbusi, wathi, Khawulezisa uMikaya unyana kaImla, eze apha.
18:9b.2CH.018.009 Ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati ukumkani wakwaYuda babehleli elowo etroneni yakhe, bambethe iingubo zabo, behleli ebaleni, ekungeneni esangweni lakwaSamari; bonke abaprofeti beprofeta phambi kwabo.
18:10b.2CH.018.010 Ke uZedekiya, unyana kaKenahana, wazenzela iimpondo zesinyithi, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Uya kuwangqula ngazo ezi ama-Aram, ude uwagqibe.
18:11b.2CH.018.011 Bonke abaprofeti benjenjalo ukuprofeta, besithi, Nyuka uye eRamoti yaseGiliyadi, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.
18:12b.2CH.018.012 Ke umthunywa obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; ilizwi lakho makhe libe njengelabo, uthethe okuhle.
18:13b.2CH.018.013 Wathi uMikaya, Ehleli nje uYehova, athe wakuthetha uThixo wam, ndothetha kona.
18:14b.2CH.018.014 Wafika kukumkani; wathi ukumkani kuye, Mikaya, siye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, ndiyeke, kusini na? Wathi, Nyuka ube nempumelelo; baya kunikelwa esandleni senu.
18:15b.2CH.018.015 Wathi ukumkani kuye, Makube zizihlandlo ezingaphi na ndikufungisa, ukuba ungathethi nto kum, ingeyiyo nyaniso egameni likaYehova? Wathi yena, Ndibone amaSirayeli onke elusali ezintabeni, njengempahla emfutshane engenamalusi.
18:16b.2CH.018.016 Wathi uYehova, Abanankosi, mababuyele elowo endlwini yakhe enoxolo.
18:17b.2CH.018.017 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Bendingatshongo na kuwe ukuthi, akayi kuprofeta okuhle ngam, koba kokubi?
18:18b.2CH.018.018 Wathi yena, Ngako oko, liveni ilizwi likaYehova: Ndim bonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe.
18:19b.2CH.018.019 Wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, ukumkani wamaSirayeli, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wenjenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha.
18:20b.2CH.018.020 Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna.
18:21b.2CH.018.021 Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na? Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Mlukuhle ufeze; phuma uye, wenjenjalo.
18:22b.2CH.018.022 Uyabona kaloku uYehova ungenise umoya wobuxoki emlonyeni wabo baprofeti bakho; uYehova uthethe okubi ngawe.
18:23b.2CH.018.023 Wesuka uZedekiya, unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Ugqithe ngayiphi na indlela uMoya kaYehova ukumka kum, ukuba aye kuthetha nawe?
18:24b.2CH.018.024 Wathi uMikaya, Khangela, uya kubona ngaloo mini, uya kuza uthungele amagumbi, uzimela.
18:25b.2CH.018.025 Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Mthabatheni uMikaya, nibuye naye, nimse kuAmoni umphathi womzi, nakuYowashe unyana wokumkani.
18:26b.2CH.018.026 Nithi, Utsho ukumkani ukuthi, Mfakeni entolongweni lo, nimdlise isonka soxiniweyo, namanzi oxiniweyo, ndide ndibuye ndinoxolo.
18:27b.2CH.018.027 Wathi uMikaya, Ukuba uthe wabuya wabuya unoxolo, woba uYehova akathethanga ngam. Wathi, Yivani nonke, zizwe ziphela.
18:28b.2CH.018.028 Wenyuka ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, baya eRamoti yaseGiliyadi.
18:29b.2CH.018.029 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndiya kuzenza mntu wumbi, ndingene ekulweni; yambatha iingubo zakho wena. Wazenza mntu wumbi ukumkani wakwaSirayeli, bangena ekulweni.
18:30b.2CH.018.030 Ke ukumkani wakwa-Aram wabawisela umthetho abathetheli beenqwelo zokulwa abenazo, wathi, Ize ningalwi nomncinane, nomkhulu; yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.
18:31b.2CH.018.031 Kwathi, bakumbona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi bona, Ngukumkani wakwaSirayeli; bamrhawula, beza kulwa naye. Wakhala uYehoshafati; uYehova wamnceda, uThixo wabasonga kuye.
18:32b.2CH.018.032 Kwathi bakubona abathetheli beenqwelo zokulwa, ukuba asingukumkani wakwaSirayeli, babuya ekumsukeleni.
18:33b.2CH.018.033 Wathi umntu watyeda isaphetha efunisela, watola ukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo. Wathi kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undikhuphele ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe.
18:34b.2CH.018.034 Ukulwa kwenyuka loo mini. Ukumkani wakwaSirayeli wazimisa enqwelweni phambi kwama-Aram kwada kwahlwa; wafa ukutshona kwelanga.
19
19:1b.2CH.019.001 Wabuya uYehoshafati ukumkani wakwaYuda, waya endlwini yakhe eYerusalem enoxolo.
19:2b.2CH.019.002 Waphuma uYehu, unyana kaHanani, imboni, esiya kumkhawulela. Wathi kukumkani uYehoshafati, Kukuthini na ukuba uncede ongendawo, ubathande abathiyi bakaYehova? Kungoko bugalelekileyo kuwe uburhalarhume obuphuma kuYehova.
19:3b.2CH.019.003 Noko kambe kukho izinto ezintle ezifumanekileyo kuwe; ngokuba ubatshisile ooAshera ezweni, wayisingisela intliziyo yakho ekumquqeleni uThixo.
19:4b.2CH.019.004 Wahlala uYehoshafati eYerusalem; wabuya waphuma, wahamba phakathi kwabantu, wathabathela eBher-shebha wesa ezintabeni zakwaEfrayim, wababuyisela kuYehova, uThixo wooyise.
19:5b.2CH.019.005 Wamisa abagwebi ezweni, emizini yonke yakwaYuda enqatyisiweyo, kwimizi ngemizi.
19:6b.2CH.019.006 Wathi kubagwebi, Kulumkeleni enikwenzayo; ngokuba akungenxa yomntu ukugweba kwenu, kungenxa kaYehova; unani ke emcimbini wokugweba.
19:7b.2CH.019.007 Ngoko ke ukoyikwa kukaYehova makube phezu kwenu; yenzani ngobulumko; ngokuba akukho bugqwetha kuYehova uThixo wethu, nakukhetha buso, nakwamkela sicengo.
19:8b.2CH.019.008 Kananjalo eYerusalem uYehoshafati wamisa inxenye yabaLevi, nababingeleli, neentloko zezindlu zooyise zakwaSirayeli, ngenxa yogwebo lukaYehova, nangenxa yokubambana kwabantu. Babuyela kwaseYerusalem.
19:9b.2CH.019.009 Wabawisela umthetho wathi, Niya kwenjenjalo ukumoyika uYehova ngokunyanisekileyo, nangentliziyo epheleleyo.
19:10b.2CH.019.010 Zonke iindawo ekubanjwene ngazo eziza kuni, zivela kubazalwana benu, abahleli emizini yabo, phakathi kwegazi negazi, phakathi komyalelo nomthetho nemimiselo namasiko, nobakhanyisela; ukuze bangabi natyala kuYehova, bunganifikeli nina nabazalwana benu uburhalarhume bakhe; nenjenjalo, ukuze ningabi natyala.
19:11b.2CH.019.011 Nanko uAmariya umbingeleli omkhulu, ephezu kwenu ezintweni zonke zikaYehova; noZebhadiya unyana kaIshmayeli, inganga yendlu yakwaYuda, ezintweni zonke zokumkani; nabaLevi boba ngababhali phambi kwenu. Yomelelani nenze; uYehova woba nolungileyo kuni.
20
20:1b.2CH.020.001 Kwathi emveni koko, oonyana bakaMowabhi noonyana baka-Amon, benamaMahun, beza kulwa noYehoshafati.
20:2b.2CH.020.002 Beza bamxelela uYehoshafati, bathi, Kuza kuwe ingxokolo eninzi, evela phesheya kolwandle kwa-Aram; nantso eHatsetson-tamare, eyiEngedi.
20:3b.2CH.020.003 Woyika uYehoshafati, wazinikela ngokwakhe ekumquqeleni uYehova, wathi makuzilwe ukudla ngamaYuda onke.
20:4b.2CH.020.004 Ahlanganisana ke amaYuda, efuna uncedo kuYehova; nasemizini yonke yakwaYuda baphuma bequqela uYehova.
20:5b.2CH.020.005 Wema uYehoshafati ebandleni lakwaYuda nelaseYerusalem, endlwini kaYehova, phambi kwentendelezo entsha,
20:6b.2CH.020.006 wathi, Yehova, Thixo woobawo, asinguwe na onguThixo emazulwini? Asinguwe na umlawuli ezikumkanini zonke zeentlanga? Akasesandleni sakho na amandla nobugorha, ukuba kungabikho unokumelana nawe?
20:7b.2CH.020.007 Asinguwe na uThixo wethu, owabagqogqayo abemi beli lizwe phambi kwabantu bakho amaSirayeli, waza walinika imbewu ka-Abraham okuthandayo, ngonaphakade?
20:8b.2CH.020.008 Bahlala kulo, bakwakhela kulo indawo engcwele ngenxa yegama lakho, besithi,
20:9b.2CH.020.009 Ukuba sithe safikelwa bububi, nalikrele, nangumgwebo, nayindyikitya yokufa, nayindlala, sema phambi kwale ndlu, naphambi kwakho (ngokuba likule ndlu igama lakho), sakhala kuwe ekubandezelekeni kwethu, wosiva usindise.
20:10b.2CH.020.010 Yabona ke naba oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni yakwaSehire, owawungavumanga ukuba amaSirayeli abangenele ekuphumeni kwawo ezweni laseYiputa; ngokuba abayeka, akabatshabalalisa;
20:11b.2CH.020.011 naba ke besibuyekeza ngokuza kusigxotha elifeni lakho, owasinikayo ukuba silidle.
20:12b.2CH.020.012 Thixo wethu, akuyi kubagweba na? Ngokuba asinamandla okumelana nale ngxokolo ininzi isizelayo; thina asazi ukuba sothini na, kodwa amehlo ethu akuwe.
20:13b.2CH.020.013 Ema ke onke amaYuda phambi koYehova, neentsana zawo, nabafazi bawo, noonyana bawo.
20:14b.2CH.020.014 UYahaziyeli, unyana kaZekariya, unyana kaBhenaya, unyana kaYehiyeli, unyana kaMataniya, umLevi wakoonyana baka-Asafu, wafikelwa nguMoya kaYehova ephakathi kwebandla elo;
20:15b.2CH.020.015 wathi, Bazani iindlebe, nonke maYuda, nani bemi baseYerusalem, nawe kumkani Yehoshafati. Utsho uYehova ukuthi kuni, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini ngenxa yale ngxokolo inje ukuba ninzi; ngokuba imfazwe le asiyeyenu, yekaThixo.
20:16b.2CH.020.016 Yihlani ngomso niye kulwa nabo; nabo benyuka ngeqhina leTsitsi; nobafumana ekupheleni kwesihlambo, phambi kwentlango yaseYeruweli.
20:17b.2CH.020.017 Le yanamhla asiyeyenu; zimiseni nime, nilubone usindiso lukaYehova onani, maYuda neYerusalem. Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini. Phumani ngomso nibahlangabeze; uYehova unani.
20:18b.2CH.020.018 Wathoba uYehoshafati, ebubhekise ubuso emhlabeni; namaYuda onke nabemi baseYerusalem bawa phambi koYehova, bamnqula uYehova.
20:19b.2CH.020.019 Basuka bema abaLevi, bakoonyana bakaKehati, nabakoonyana bamaKora, ukuba badumise uYehova, uThixo kaSirayeli, ngezwi elikhulu kunene.
20:20b.2CH.020.020 Bavuka kusasa ngengomso, baphuma baya entlango yeTekowa. Ekuphumeni kwabo wema uYehoshafati, wathi, Ndiphulaphuleni, nina maYuda, nani bemi baseYerusalem. Kholwani kuYehova uThixo wenu, nozimaseka; kholwani kubaprofeti bakhe, noba nempumelelo.
20:21b.2CH.020.021 Uthe akucebisana nabantu, wamisa iimvumi zikaYehova zokudumisa, zivethe ezingcwele, eziya kuphuma zihambe phambi kwabaxhobileyo, zisithi, bulelani kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
20:22b.2CH.020.022 Bathe bakuqala ukumemelela nokudumisa, uYehova wabafikisela abalaleli oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni yakwaSehire, ababeze kumaYuda; babulawa.
20:23b.2CH.020.023 Ngokuba oonyana baka-Amon nabakaMowabhi besuka balwa nabemi bentaba yakwaSehire, ukuba babasingele phantsi, babatshabalalise. Bakubagqiba abemi bakwaSehire, babulalana kwabodwa.
20:24b.2CH.020.024 Afika amaYuda emboniselweni yasentlango, akhangela kuloo ngxokolo, abona bezizidumbu, bequngquluzile emhlabeni, kungekho usindileyo.
20:25b.2CH.020.025 UYehoshafati nabantu bakhe beza kuphanga amaxhoba; bafumana kubo into eninzi: impahla, nezidumbu, nezinto ezinqwenelekayo; baziphangela, kwayinkohla ukuyithwala. Baba ntsuku ntathu bewaphanga amaxhoba, ngokuba abemaninzi.
20:26b.2CH.020.026 Ngomhla wesine bahlanganisana eNtilini yokuBonga; kuba bambonga khona uYehova; ngenxa yoko bathi igama lale ndawo yiNtili yokuBonga, unanamhla.
20:27b.2CH.020.027 Abuya onke amadoda akwaYuda nawaseYerusalem, uYehoshafati esentloko kuwo, ukuze abuye aye eYerusalem, enovuyo; ngokuba uYehova wenza ukuba azivuyelele iintshaba zawo.
20:28b.2CH.020.028 Angena eYerusalem enemirhubhe, neehadi, namaxilongo, aya endlwini kaYehova.
20:29b.2CH.020.029 Ukoyikwa kukaYehova kwazifikela zonke izikumkani zamazwe, zakuva ukuba uYehova ulwile neentshaba zakwaSirayeli.
20:30b.2CH.020.030 Bazola ke ubukumkani bukaYehoshafati; uThixo wakhe wamphumza ngeenxa zonke.
20:31b.2CH.020.031 UYehoshafati waye engukumkani kwaYuda; ubeminyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; aba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi.
20:32b.2CH.020.032 Wahamba ngendlela kayise uAsa, akatyeka kuyo; wenza okuthe tye emehlweni kaYehova.
20:33b.2CH.020.033 Kodwa iziganga abazisusanga; abantu babengekazibhekisi iintliziyo zabo kuThixo wooyise.
20:34b.2CH.020.034 Ezinye izinto zikaYehoshafati, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaYehu unyana kaHanani, eyafakwa encwadini yookumkani bakwaSirayeli.
20:35b.2CH.020.035 Emveni koko uYehoshafati ukumkani wakwaYuda wazimanya noAhaziya ukumkani wakwaSirayeli, lowo wenzayo okungendawo.
20:36b.2CH.020.036 Wazimanya naye ngokwenza iinqanawa zokuya eTarshishe; bazenza iinqanawa e-Etsiyon-gebhere.
20:37b.2CH.020.037 Waprofeta uEliyezere, unyana kaDodavahu waseMaresha, ngoYehoshafati, esithi, Ngokudibana kwakho noAhaziya, uyaphule uYehova imisebenzi yakho. Zaphuka ke iinqanawa ezo, azaba nakuya eTarshishe.
21
21:1b.2CH.021.001 UYehoshafati walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide; uYehoram, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
21:2b.2CH.021.002 Ubenabaninawa, oonyana bakaYehoshafati; uAzariya, noYehiyeli, noZekariya, noAzariya, noMikayeli, noShefatiya; bonke abo ngoonyana bakaYehoshafati, ukumkani wakwaSirayeli.
21:3b.2CH.021.003 Uyise wabanika izipho ezininzi zesilivere nezegolide, nezinto ezintle, kunye nemizi enqatyisiweyo kwaYuda; ke ubukumkani wabunika uYehoram, ngokuba ebengowamazibulo.
21:4b.2CH.021.004 Akuphakama uYehoram ebukumkanini bukayise, wazomeleza, wababulala bonke abaninawa bakhe ngekrele, nenxenye yeenkosana zakwaSirayeli.
21:5b.2CH.021.005 Ubeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe uYehoram, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka esibhozo engukumkani eYerusalem.
21:6b.2CH.021.006 Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli, njengoko yenza ngako indlu ka-Ahabhi; ngokuba wayezeke intombi ka-Ahabhi; wenza ububi emehlweni kaYehova.
21:7b.2CH.021.007 Ke akavumanga uYehova ukuyonakalisa indlu kaDavide, ngenxa yomnqophiso awawenzela uDavide, njengoko wathethayo, ukuba uya kumnika isibane, kwanoonyana bakhe, yonke imihla.
21:8b.2CH.021.008 Ngemihla yakhe amaEdom akreqa esandleni sakwaYuda, azenzela ukumkani.
21:9b.2CH.021.009 Wagqitha uYehoram, enabathetheli bakhe, eneenqwelo zakhe zonke zokulwa; wavuka ebusuku, wawabulala amaEdom abemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa.
21:10b.2CH.021.010 Akreqa ke amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda, unanamhla. Yaza yakreqa iLibhena esandleni sakhe kwangelo xesha; ngokuba ebemshiyile uYehova, uThixo wooyise.
21:11b.2CH.021.011 Kananjalo, yena wenza iziganga ezintabeni zakwaYuda; wabahenyuzisa abemi baseYerusalem, wawawexula amaYuda.
21:12b.2CH.021.012 Kweza kuye incwadi ivela kuEliya umprofeti, isithi, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ngethuba lokuba ungahambanga ngeendlela zikaYehoshafati uyihlo, nangeendlela zika-Asa ukumkani wakwaYuda;
21:13b.2CH.021.013 usuke wabamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli, wawahenyuzisa amaYuda nabemi baseYerusalem, ngokokuhenyuzisa kwendlu ka-Ahabhi; kananjalo wababulala abaninawa bakho bendlu kayihlo, ababelungile kunawe:
21:14b.2CH.021.014 yabona, uYehova uya kubabetha ngesibetho esikhulu abantu bakho, noonyana bakho, nabafazi bakho, nempahla yakho yonke;
21:15b.2CH.021.015 ke wena wobethwa zizifo ezininzi, sisifo sezibilini zakho, zide ziphume izibilini zakho sisifo semihla ngemihla.
21:16b.2CH.021.016 UYehova wawaxhokonxa amaFilisti, nama-Arabhi asecaleni lamaKushi, ukuba amchase uYehoram.
21:17b.2CH.021.017 Enyuka eza kwelamaYuda, atyhoboza, angena kulo, athimba yonke impahla eyafumaneka endlwini yokumkani, kwanoonyana bakhe, nabafazi bakhe; abamshiya nanyana, yaba nguYehowahazi unyana wakhe omncinane yedwa.
21:18b.2CH.021.018 Emveni kwezo zinto, uYehova wambetha ezibilinini zakhe ngesifo esingenakuphiliswa.
21:19b.2CH.021.019 Kwathi ekuhambeni kwexesha, ekupheleni kweminyaka emibini esifa, zaphuma izibilini zakhe esifa njalo; wafa esezintlungwini ezinkulu. Abantu bakhe abamenzelanga baso njengebaso looyise.
21:20b.2CH.021.020 Ubeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka esibhozo engukumkani eYerusalem; wemka engalilelwa bani. Bamngcwabela emzini kaDavide; kodwa akangcwatyelwa emangcwabeni ookumkani.
22
22:1b.2CH.022.001 Abemi baseYerusalem bamenza uAhaziya, unyana wakhe omncinane, ukumkani esikhundleni sakhe; ngokuba bonke abakhulu babebulewe ngamatutu aweza nama-Arabhi emkhosini. Waba ngukumkani ke uAhaziya, unyana kaYehoram, ukumkani wamaYuda.
22:2b.2CH.022.002 UAhaziya ubeminyaka imashumi mane anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba namnyaka mnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAtaliya, intombi kaOmri.
22:3b.2CH.022.003 Kananjalo yena wahamba ngeendlela zendlu ka-Ahabhi; ngokuba unina ubengumcebisi wakhe, ukuba enze okungendawo.
22:4b.2CH.022.004 Wenza ububi emehlweni kaYehova, njengendlu ka-Ahabhi; ngokuba babengabacebisi bakhe bona emva kokufa kukayise, bemonakalisa.
22:5b.2CH.022.005 Kananjalo wahamba ngecebo labo. Wahamba noYehoram unyana ka-Ahabhi, ukumkani wakwaSirayeli, waya kulwa noAzayeli ukumkani wama-Aram, eRamoti yaseGiliyadi; ama-Aram amngxwelerha uYehoram.
22:6b.2CH.022.006 Wabuya, eza kunyangwa eYizereli loo manxeba wawafumana eRama, ekulweni kwakhe noAzayeli ukumkani wama-Aram. Wehla uAzariya unyana kaYehoram, ukumkani wakwaYuda, waya kubona uYehoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, ngokuba ebesifa.
22:7b.2CH.022.007 Kwaphuma kuThixo ukutyunyuzwa kuka-Ahaziya, ngokuthi eze kuYehoram. Ekufikeni kwakhe waphuma noYehoram; baya kuYehu unyana kaNimshi, awamthambisayo uYehova ukuba ayinqamle indlu ka-Ahabhi.
22:8b.2CH.022.008 Kwathi, ekugwetyweni kwendlu ka-Ahabhi nguYehu, wafumana abathetheli bakwaYuda, noonyana babazalwana baka-Ahaziya, ababelungiselela kuAhaziya, wababulala.
22:9b.2CH.022.009 Wafunwa uAhaziya; bambamba ezimele kwaSamari, bamsa kuYehu, bambulala; bamngcwaba, ngokuba babesithi, Ngunyana kaYehoshafati, obemquqela uYehova ngentliziyo yakhe yonke. Indlu ka-Ahaziya yayingenabani unokuphatha ubukumkani.
22:10b.2CH.022.010 Wathi ke uAtaliya, unina ka-Ahaziya, akubona ukuba ufile unyana wakhe, wesuka wayitshabalalisa ngobubhedengu yonke imbewu enobukhosi bendlu yakwaYuda.
22:11b.2CH.022.011 UYehoshabhati, intombi yokumkani, wamthabatha uYowashe, unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawayo, wambeka yena nomondli wakhe egumbini lokulala. UYehoshabhati, intombi yokumkani uYehoram, umkaYehoyada umbingeleli (ngokuba ubengudade boAhaziya), wamfihla kuAtaliya, ukuze angabulawa.
22:12b.2CH.022.012 Wayenabo endlwini kaThixo, ezinyeziwe, iminyaka emithandathu. Ke uAtaliya waba ngukumkanikazi welizwe elo.
23
23:1b.2CH.023.001 Ngomnyaka wesixhenxe wazomeleza uYehoyada, wathabatha abathetheli-makhulu, uAzariya unyana kaYehoram, noIshmayeli unyana kaYehohanan, noAzariya unyana kaObhedi, noMahaseya unyana ka-Adaya, noElishafati unyana kaZikri, wanqophisana nabo.
23:2b.2CH.023.002 Bajikeleza kwaYuda, babahlanganisa abaLevi emizini yonke yakwaYuda, neentloko zonke zezindlu zooyise zakwaSirayeli, beza nabo eYerusalem.
23:3b.2CH.023.003 Lesuka lonke ibandla lenza umnqophiso nokumkani endlwini kaThixo. Wathi kubo uYehoyada, Yabonani, unyana wokumkani makabe ngukumkani, njengoko wakuthethayo uYehova ngonyana bakaDavide.
23:4b.2CH.023.004 Yiyo le into eniya kuyenza; esinye isahlulo sesithathu kuni bangenayo ngesabatha, kubabingeleli nakubaLevi, soba ngabagcini bamasango;
23:5b.2CH.023.005 esinye isahlulo sesithathu soba sendlwini yokumkani; esinye isahlulo sesithathu soba seSangweni lesiSeko; abantu bonke boba sezintendelezweni zendlu kaYehova.
23:6b.2CH.023.006 Ize kungangeni bani endlwini kaYehova, ngaphandle kwababingeleli nabalungiseleli bakubaLevi; bona baya kungena ngokuba bangcwele; bonke abantu bazigcine izigxina zikaYehova.
23:7b.2CH.023.007 AbaLevi bomngqonga ukumkani ngeenxa zonke, elowo ephethe iintonga zakhe ngesandla; ongowumbi ongenayo endlwini makabulawe; babe nokumkani ekungeneni kwakhe nasekuphumeni kwakhe.
23:8b.2CH.023.008 Benza ke abaLevi namaYuda onke njengako konke awabawisela umthetho ngako uYehoyada umbingeleli. Bathabatha elowo amadoda akhe, abengena ngesabatha nabephuma ngesabatha; ngokuba uYehoyada umbingeleli akawandululanga amaqela lawo.
23:9b.2CH.023.009 UYehoyada umbingeleli wabanika abathetheli-makhulu iintshuntshe, neengweletshetshe, namakhaka, abengakakumkani uDavide, abesendlwini kaThixo.
23:10b.2CH.023.010 Wabamisa bonke abantu, elowo eneentonga zakhe esandleni; bathabathela kwelokunene igxalaba lendlu besa kwelokhohlo igxalaba lendlu, ngasesibingelelweni nangasendlwini, kukumkani ngeenxa zonke.
23:11b.2CH.023.011 Bamkhuphela phandle unyana wokumkani, bamfaka isithsaba, bamnika isingqiniso, bamenza ukumkani. UYehoyada noonyana bakhe bamthambisa, bathi, Makadle ubomi ukumkani!
23:12b.2CH.023.012 Uthe uAtaliya akusiva isandi sabantu, begidima, bedumisa ukumkani, weza ebantwini endlwini kaYehova.
23:13b.2CH.023.013 Wakhangela, wambona ukumkani emi endaweni ephakamileyo ekungeneni, abathetheli nabavutheli-maxilongo bengakukumkani; abantu bonke belizwe bevuya, bevuthela amaxilongo; iimvumi zineempahla zokuvuma, zihlabela awokudumisa. UAtaliya wazikrazula iingubo zakhe, wathi, Licebo! licebo!
23:14b.2CH.023.014 UYehoyada umbingeleli wabawisela umthetho abathetheli-makhulu, abaveleli bomkhosi, wathi kubo, Mkhupheleni phandle phakathi kwezintlu; omlandelayo makabulawe ngekrele. Ngokuba ubesithi umbingeleli, Makangabulawelwa endlwini kaYehova.
23:15b.2CH.023.015 Bamkhwelela ke ngeenxa zombini; waya ekungeneni kwesango lamahashe endlwini yokumkani; bambulalela khona.
23:16b.2CH.023.016 Wenza uYehoyada umnqophiso phakathi kwakhe nabantu bonke, nokumkani, ukuba babe ngabantu bakaYehova.
23:17b.2CH.023.017 Baya bonke abantu endlwini kaBhahali, bayidiliza; nezibingelelo zakhe, nemifanekiso yakhe bayiqhekeza; bambulala uMatan, umbingeleli kaBhahali, phambi kwezibingelelo.
23:18b.2CH.023.018 UYehoyada wamisa abaveleli bendlu kaYehova ngesandla sababingeleli abangabaLevi, awabahlulela uDavide indlu kaYehova, ukuba banyuse amadini anyukayo kaYehova, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, benovuyo neengoma, ngoko kumiselwe nguDavide.
23:19b.2CH.023.019 Wamisa abagcini-masango emasangweni endlu kaYehova, ukuze kungangeni uyinqambi nangantoni.
23:20b.2CH.023.020 Wathabatha abathetheli-makhulu, nezinhanha, nabalawuli babantu, nabantu bonke belizwe, wehla nokumkani endlwini kaYehova; bangena ngesango eliphezulu lendlu yokumkani, bambeka ukumkani etroneni yokumkani.
23:21b.2CH.023.021 Bavuya ke bonke abantu belizwe, umzi wazola; bambulala ke uAtaliya ngekrele.
24
24:1b.2CH.024.001 UYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mane engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguTsibheya waseBher-shebha.
24:2b.2CH.024.002 UYowashe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova yonke imihla kaYehoyada umbingeleli.
24:3b.2CH.024.003 UYehoyada wamzekela abafazi ababini; wazala oonyana neentombi.
24:4b.2CH.024.004 Kwathi emveni koko kwaba sentliziyweni kaYowashe, ukuba ayihlaziye indlu kaYehova.
24:5b.2CH.024.005 Wabahlanganisa ababingeleli nabaLevi, wathi kubo, Phumani niye emizini yakwaYuda, nibuthe imali kumaSirayeli onke, yokuyihlaziya indlu kaThixo wenu iminyaka ngeminyaka; yikhawuleziseni loo nto. Ke abaLevi abayikhawulezisanga.
24:6b.2CH.024.006 Ukumkani wambiza uYehoyada umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Yini na ukuba ungabaveleli abaLevi, bayizise irhafu kumaYuda naseYerusalem, ngokomyalelo kaMoses, umkhonzi kaYehova, nowebandla lamaSirayeli, ngenxa yentente yesingqiniso?
24:7b.2CH.024.007 (Ngokuba uAtaliya, laa mfazi ungendawo, noonyana bakhe, babeyigqobhozile indlu kaThixo; kananjalo zonke izinto ezingcwele zendlu kaYehova babezenze ezooBhahali.)
24:8b.2CH.024.008 Wathi ukumkani, mabenze umkhombe, bawubeke esangweni lendlu kaYehova ngaphandle.
24:9b.2CH.024.009 Bathumela ilizwi kwaYuda naseYerusalem, ukuba kuziswe kuYehova irhafu eyamiswa nguMoses umkhonzi kaThixo, phezu kwamaSirayeli entlango.
24:10b.2CH.024.010 Bavuya bonke abathetheli, nabantu bonke; bayizisa, bayiphosa emkhombeni wada wazala.
24:11b.2CH.024.011 Kwathi ke ngexesha lokuziswa komkhombe ngesandla sabaLevi kubaveleli bokumkani, bakubona ukuba ininzi imali, weza umbhali wokumkani, nomveleli wombingeleli omkhulu, bayikhupha imali esemkhombeni, baza bawuthwala, bawubuyisela endaweni yawo. Benjenjalo imihla ngemihla, bahlanganisa imali yaninzi.
24:12b.2CH.024.012 Ukumkani noYehoyada bayinikela kubenzi bomsebenzi wenkonzo endlwini kaYehova; bona baqesha abaxholi bamatye neengcibi zemithi, ukuba bayihlaziye indlu kaYehova; neengcibi zesinyiti, nezobhedu; ukuba zilungise indlu kaYehova.
24:13b.2CH.024.013 Basebenza ke abenzi bomsebenzi; wenyuka umsebenzi wokuyihlaziya ezandleni zabo; bayimisa indlu kaThixo, yazinziswa, yazinyaswa.
24:14b.2CH.024.014 Bakuyigqiba, bayizisa imali eseleyo phambi kokumkani noYehoyada, benza ngayo iimpahla zendlu kaYehova, iimpahla zokulungiselela, nezamadini anyukayo, neenkamba, neempahla zegolide nezesilivere. Baye benyusa amadini anyukayo endlwini kaYehova ngamaxesha onke, yonke imihla kaYehoyada.
24:15b.2CH.024.015 Ke uYehoyada wayeseleyingwevu, ehambisekile ebudaleni, ukufa kwakhe. Ebeminyaka ilikhulu linamanci mathathu ezelwe, ukufa kwakhe.
24:16b.2CH.024.016 Bamngcwabela emzini kaDavide kookumkani; ngokuba wenza okulungileyo kwaSirayeli, nakuThixo, nakwindlu yakhe.
24:17b.2CH.024.017 Emva kokufa kukaYehoyada, beza abathetheli bakwaYuda, baqubuda kukumkani. Waza wabaphulaphula ukumkani.
24:18b.2CH.024.018 Bayishiya indlu kaYehova, uThixo wooyise, bakhonza ooAshera nezithixo. Afikelwa buburhalarhume amaYuda neYerusalem ngenxa yelo tyala lawo.
24:19b.2CH.024.019 Wathuma abaprofeti kubo bokubabuyisela kuYehova, babaqononondisa; ke bona abaphulaphula noko.
24:20b.2CH.024.020 UMoya kaThixo wamthi gqubuthu uZekariya, unyana kaYehoyada umbingeleli, wema phezu kwabantu, wathi kubo, Utsho uThixo ukuthi, Yini na ukuba niyigqithe imithetho kaYehova, nize ningabi nampumelelo? Ngokuba nimshiyile uYehova, wonishiya nani.
24:21b.2CH.024.021 Bamceba bamxuluba ngamatye, ngokomthetho wokumkani entendelezweni yendlu kaYehova.
24:22b.2CH.024.022 Wenjenjalo uYowashe ukumkani, akayikhumbula inceba abeyenzile uYehoyada, uyise kaZekariya, kuye; wesuka wambulala unyana wakhe. Ekufeni kwakhe wathi, UYehova wokhangela abuze.
24:23b.2CH.024.023 Kwathi ekupheleni komnyaka, yenyuka yeza kuye impi yama-Aram; eza kwaYuda naseYerusalem, abatshabalalisa bonke abathetheli babantu ebantwini; onke amaxhoba awo awathumela kukumkani waseDamasko.
24:24b.2CH.024.024 Ngokuba impi yama-Aram yeza inamadoda ambalwa; uYehova wanikela esandleni sawo impi eninzi kunene; ngokuba babemshiyile uYehova, uThixo wooyise. Amgweba ke uYowashe.
24:25b.2CH.024.025 Ekumkeni kwawo kuye (ngokuba amshiya eneentlungu ezinkulu), bamceba abakhonzi bakhe (ngenxa yamagazi oonyana bakaYehoyada umbingeleli), bambulalela esingqengqelweni sakhe, wafa; bamngcwabela emzini kaDavide; ke abamngcwabelanga emangcwabeni ookumkani.
24:26b.2CH.024.026 Abo ke bamcebayo nguZabhadi, unyana kaShimehati umAmonikazi, noYozabhadi, unyana kaShimriti umMowabhikazi.
24:27b.2CH.024.027 Ke oonyana bakhe, nobuninzi bezihlabo ezimsongelayo, nokusekwa kwendlu kaThixo, nanzo zibhaliwe ezincwadini zamabali ookumkani. UAmatsiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
25
25:1b.2CH.025.001 UAmatsiya ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYehowadan waseYerusalem.
25:2b.2CH.025.002 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa kungengantliziyo ipheleleyo.
25:3b.2CH.025.003 Kwathi, bakuqiniselwa ubukumkani kuye, wababulala abakhonzi bakhe, ababebulele ukumkani uyise.
25:4b.2CH.025.004 Ke oonyana babo akababulalanga, kwanjengoko kubhaliweyo emyalelweni, encwadini kaMoses, apho uYehova ebewise khona umthetho wokuthi: Mabangabulawa ooyise ngenxa yoonyana, noonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesakhe isono.
25:5b.2CH.025.005 UAmatsiya wawahlanganisa amaYuda onke, wawamisa ngokwezindlu zooyise, ngokwabathetheli-mawaka, nangokwabathetheli-makhulu, kuwo onke amaYuda namaBhenjamin; wababala, ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kunyuse. Wabafuma na bengamakhulu amathathu amawaka amadodana anokuphuma umkhosi, ephethe iintonga namakhaka.
25:6b.2CH.025.006 Waqesha kumaSirayeli ikhulu lamawaka amagorha anobukroti, ngekhulu leetalente zesilivere.
25:7b.2CH.025.007 Kweza ke umfo wakwaThixo kuye, esithi, Kumkani, mawungahambi nawe umkhosi wamaSirayeli; ngokuba akakho uYehova kumaSirayeli, koonyana bonke bakwaEfrayim.
25:8b.2CH.025.008 Hamba wedwa, wenze womelele ekulweni; uThixo akayi kukuwisa phambi kotshaba; ngokuba uThixo unamandla okunceda nawokuwisa.
25:9b.2CH.025.009 UAmatsiya wathi kumfo wakwaThixo, Liya kuthiwani na ikhulu leetalente, endalinika umkhosi wamaSirayeli? Wathi umfo wakwaThixo, UYehova angakunika okuninzi kunoko.
25:10b.2CH.025.010 UAmatsiya ke wayahlula impi leyo yayize kuye, ivela kwaEfrayim, ukuba iye endaweni yayo. Wavutha umsindo wayo kunene ngakumaYuda; babuya baya endaweni yabo bevutha ngumsindo.
25:11b.2CH.025.011 UAmatsiya wazomeleza, wabaqhuba abantu bakhe, waya eSihlanjeni seTyuwa, wabulala koonyana bakwaSehire ishumi lamawaka.
25:12b.2CH.025.012 Oonyana bakaYuda balithimba elinye ishumi lamawaka lihleli; babasa encotsheni yengxondorha leyo, babaphosa phantsi encotsheni yengxondorha, badlabhuka bonke bephela.
25:13b.2CH.025.013 Ke abomkhosi awababuyisayo uAmatsiya, ukuba bangayi naye ekulweni, bayingenela imizi yakwaYuda, bethabathela kwaSamari, besa eBhete-horon, babulala kuyo amawaka amathathu, baphanga into eninzi yamaxhoba.
25:14b.2CH.025.014 Kwathi emva kokubuya kuka-Amatsiya ekuwabulaleni amaEdom, wezisa izithixo zoonyana bakwaSehire, wazimisa ukuba zibe zizithixo zakhe, waqubuda phambi kwazo, waqhumisela kuzo.
25:15b.2CH.025.015 Wawutha umsindo kaYehova kuAmatsiya, wathumela umprofeti kuye, wathi kuye, Yini na ukuba uquqele izithixo zabantu ezingabahlangulanga abantu bazo esandleni sakho?
25:16b.2CH.025.016 Kwathi esathetha naye, ukumkani wathi kuye, Sikumisile yini na ukuba ube ngumphakathi wokumkani? Yeka; yini na ukuba uzibethise. Wayeka umprofeti wathi, Ndiyazi ukuba uThixo ugqibe kwelokuba akutshabalalise, ngokuba ukwenzile oku, akwaliphulaphula icebo lam.
25:17b.2CH.025.017 UAmatsiya ukumkani wakwaYuda wathabatha icebo, wathumela kuYowashe, unyana kaYehowahazi, unyana kaYehu, ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Khawuze siqwalaselane ngamehlo.
25:18b.2CH.025.018 UYowashe ukumkani wamaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, Ikhakakhaka eliseLebhanon lathumela kumsedare oseLebhanon, lisithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakhe. Ke irhamncwa laseLebhanon ladlula, lalibhuqa ikhakakhaka elo.
25:19b.2CH.025.019 Uthi, Yabona, ndiwabulele amaEdom; yakuphakamisa intliziyo yakho, ukuba uzizukise. Hlala kaloku endlwini yakho; yini na ukuba okunene ufekethe ngobubi, uwe, wena namaYuda anawe.
25:20b.2CH.025.020 Akaphulaphula uAmatsiya; ngokuba oko kwakuphuma kuThixo, ukuze abanikele esandleni seentshaba zabo; ngokuba babequqele izithixo zakwaEdom.
25:21b.2CH.025.021 Wenyuka ke uYowashe ukumkani wakwaSirayeli; baqwalaselana ngamehlo, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe, ekwaYuda.
25:22b.2CH.025.022 Atyelwa ke amaYuda ngamaSirayeli; asaba, yangulowo waya ententeni yakhe.
25:23b.2CH.025.023 UYowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana kaYehowahazi, eBhete-shemeshe, wamzisa eYerusalem; waluqhekeza udonga lwaseYerusalem, ethabathela esangweni lakwaEfrayim, wesa esangweni lembombo, iikubhite ezimakhulu mane.
25:24b.2CH.025.024 Wayithabatha yonke igolide, nesilivere, nempahla yonke eyafumanekayo endlwini kaThixo, ebino-Obhedi-edom, nobuncwane bendlu yokumkani, nabafo abazizibambiso, wabuyela kwaSamari.
25:25b.2CH.025.025 UAmatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, emva kokufa kukaYowashe unyana kaYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli, waba minyaka ilishumi linesihlanu esidla ubomi.
25:26b.2CH.025.026 Ezinye izinto zika-Amatsiya, ezokuqala nezokugqibela, asizezo na zibhaliweyo encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli?
25:27b.2CH.025.027 Ke kaloku, emveni kwexesha awatyeka ngalo uAmatsiya ekumlandeleni uYehova, bamceba eYerusalem; wasabela eLakishe.
25:28b.2CH.025.028 Bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulalela khona. Bamthwala ngamahashe, bamngcwabela koyise, emzini wakwaYuda.
26
26:1b.2CH.026.001 Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha u-Uziya, akubon ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.
26:2b.2CH.026.002 Yakhiwa nguye iEloti, wayibuyisela kumaYuda, emva kokulala kokumkani kooyise.
26:3b.2CH.026.003 U-Uziya ubeminyaka ilishumi elinamithandathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguYekoliya waseYerusalem.
26:4b.2CH.026.004 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uAmatsiya uyise.
26:5b.2CH.026.005 Wamquqela uThixo ngemihla kaZekariya, owamfundisayo ukumoyika uThixo; ngemihla yokumquqela kwakhe uYehova, uThixo wamenza wanempumelelo.
26:6b.2CH.026.006 Waphuma walwa namaFilisti, waluqhekeza udonga lwaseGati, nodonga lwaseYabhene, nodonga lwaseAshdode, wakha imizi kummandla waseAshdode naphakathi kwamaFilisti.
26:7b.2CH.026.007 UThixo wamnceda kumaFilisti, nakuma-Arabhi ahleli eGur-bhahali, nakumaMahan.
26:8b.2CH.026.008 Ama-Amon amnika u-Uziya umnikelo. Igama lakhe laduma, lada laya kufika ekungeneni kweYiputa; ngokuba womelela wada wenyuka.
26:9b.2CH.026.009 U-Uziya wakha iinqaba ezinde eYerusalem, esangweni lembombo, nasesangweni lomfula, nasembombeni yodonga, wazinqabisa ke.
26:10b.2CH.026.010 Wakha iinqaba ezinde entlango, wemba amaqula amaninzi; ngokuba imfuyo yakhe yabe ininzi kwelentili nakwelamathafa. Ubenabalimi bomhlaba nabezidiliya ezintabeni naseKarmele; ngokuba wayethanda ukulima umhlaba.
26:11b.2CH.026.011 U-Uziya ubenempi elwayo, ephuma umkhosi ngamaqela, ngenani lokubalwa kwabo ngesandla sikaYehuweli umbhali, noMahaseya umphathi, phantsi kolawulo luka Hananiya, ongomnye wakubathetheli bokumkani.
26:12b.2CH.026.012 Lonke inani leentloko zezindlu zooyise, lamagorha anobukroti, lalingamawaka amabini anamakhulu mathandathu.
26:13b.2CH.026.013 Ngaphantsi kwabo, impi ephuma umkhosi yayingamakhulu amathathu amawaka, anamawaka asixhenxe, anamakhulu mahlanu alwayo, anamandla obukroti ukumnceda ukumkani elutshabeni.
26:14b.2CH.026.014 U-Uziya wawalungiselela, emkhosini wonke, iingweletshetshe, nezikhali, nezigcina-ntloko, neengubo zentsimbi, nezaphetha, namatye okusawula.
26:15b.2CH.026.015 Wenza eYerusalem omashini abenziwe ngobuqili beengcibi, bokuba phezu kweenqaba ezinde naphezu koqoqo, ukuba kutolwe ngeentolo, kusawulwe ngamatye amakhulu. Laduma igama lakhe, lada laya kude, ngokuba wancedwa ngokubalulekileyo, wada womelela.
26:16b.2CH.026.016 Uthe ke akomelela, yaphakama intliziyo yakhe, wada wenza ububi; ngokuba wenza ubumenemene kuYehova uThixo wakhe, wangena etempileni kaYehova, ukuba aqhumisele esibingelelweni sesiqhumiso.
26:17b.2CH.026.017 UAzariya umbingeleli wamlandela, enababingeleli bakaYehova abangamashumi asibhozo, amadoda anobukroti.
26:18b.2CH.026.018 Bammela u-Uziya ukumkani, bathi kuye, Asikokwakho, Uziya, ukuqhumisela kuYehova; kokwababingeleli, oonyana baka-Aron abangcwaliselwa ukuqhumisela; phuma engcweleni, ngokuba wenza ubumenemene; akuluzuko oko kuwe phambi koYehova uThixo.
26:19b.2CH.026.019 Wajala u-Uziya, ephethe ngesandla isiqhumiso sokuqhumisela. Uthe esabajalele ababingeleli, kwasuka kwaphuma iqhenqa ebunzini lakhe phambi kwababingeleli endlwini kaYehova, engasesibingelelweni sokuqhumisela.
26:20b.2CH.026.020 UAzariya, umbingeleli omkhulu, nababingeleli bonke, babheka kuye, nanko eneqhenqa ebunzi, bamgxotha ngobungxamo khona, wangxama naye ukuphuma; ngokuba uYehova ubembethile.
26:21b.2CH.026.021 Waye u-Uziya ukumkani eneqhenqa, kwada kwayimini yokufa kwakhe, wahlala endlwini eyodwa, eneqhenqa; ngokuba wanqanyulwa endlwini kaYehova. UYotam, unyana wakhe, wayiphatha indlu yokumkani, ebalawula abantu belizwe.
26:22b.2CH.026.022 Ezinye izinto zikaUziya, ezokuqala nezokugqibela, wazibhala uIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti.
26:23b.2CH.026.023 U-Uziya walala kooyise; bamngcwabela ngakooyise emhlabeni wokungcwaba wookumkani; ngokuba bathi, Uneqhenqa. UYotam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
27
27:1b.2CH.027.001 UYotam ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguYerusha intombi kaTsadoki.
27:2b.2CH.027.002 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo u-Uziya uyise; kodwa akangenanga etempileni kaYehova; ke abantu bona babesabenza ububi.
27:3b.2CH.027.003 Yena walakha isango eliphezulu lendlu kaYehova; wakha kakhulu naseludongeni lwaseOfele.
27:4b.2CH.027.004 Wakha imizi kweleentaba lakwaYuda, nasemahlathini wakha iinqaba neemboniselo.
27:5b.2CH.027.005 Walwa noonyana baka-Amon, waboyisa. Oonyana baka-Amon bamnika ngaloo mnyaka ikhulu leetalente zesilivere, neshumi lamawaka eekore zengqolowa, neshumi lamawaka erhasi. Oko baphinda bakuzisa kuye oonyana baka-Amon ngomnyaka wesibini nangowesithathu.
27:6b.2CH.027.006 Womelela ke uYotam; ngokuba waziqinisela iindlela zakhe phambi koYehova uThixo wakhe.
27:7b.2CH.027.007 Ezinye izinto zikaYotam, neemfazwe zakhe zonke, neendlela zakhe, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.
27:8b.2CH.027.008 Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem.
27:9b.2CH.027.009 UYotam walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; uAhazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
28
28:1b.2CH.028.001 UAhazi ubeminyaka imashumi mabini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem. Akakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova njengoDavide uyise;
28:2b.2CH.028.002 wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli, kananjalo wabenzela ooBhahali imifanekiso etyhidiweyo.
28:3b.2CH.028.003 Waqhumisela yena emfuleni waseBhen-hinom, wabatshisa oonyana bakhe ngomlilo, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
28:4b.2CH.028.004 Wabingelela waqhumisela ezigangeni, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.
28:5b.2CH.028.005 UYehova, uThixo wakhe, wamnikela esandleni sokumkani wama-Aram; ameyisa, athimba kuye into eninzi yabathinjwa, abasa eDamasko. Kananjalo wanikelwa esandleni sokumkani wakwaSirayeli, uPeka; wabulala kwimpi yakhe kakhulu.
28:6b.2CH.028.006 UPeka, unyana kaRemaliya, wabulala kumaYuda ikhulu elinamanci amabini lamawaka ngamini-nye, bonke bengamadoda anobukroti, ngokushiya kwabo uYehova, uThixo wooyise.
28:7b.2CH.028.007 UZikri, igorha lakwaEfrayim, wabulala uMahaseya unyana wokumkani, noAzerikam inganga yendlu yakhe, noElikana onganeno kokumkani.
28:8b.2CH.028.008 Oonyana bakaSirayeli bathimba kubazalwana babo amakhulu amabini amawaka, abafazi, noonyana, neentombi, kananjalo babaphanga amaxhoba amaninzi, bawazisa amaxhoba lawo kwaSamari.
28:9b.2CH.028.009 Apho ke bekukho umprofeti kaYehova, ogama linguOdede. Waphuma waya kukhawulela umkhosi owawusiza kwaSamari, wathi kubo, Yabonani, ngenxa yobushushu bukaYehova, uThixo wooyihlo, obukumaYuda, uwanikele ezandleni zenu; nibabulele ke ngomsindo ode waya kufikelela emazulwini.
28:10b.2CH.028.010 Kaloku ke oonyana bakwaYuda neYerusalem, nithe nina niya kubanyathela, babe ngamakhoboka namakhobokazana kuni. Kodwa nina aninatyala na kuYehova uThixo wenu?
28:11b.2CH.028.011 Ndiphulaphuleni ngoko, nibabuyise abathinjwa, enabathimba kubazalwana benu; ngokuba ukuvutha komsindo kukaYehova kuphezu kwenu.
28:12b.2CH.028.012 Kwesuka ke amadoda akwiintloko zoonyana bakaEfrayim, ooAzariya unyana kaYohanan, noBherekiya unyana kaMeshilemoti, noHezekiya unyana kaShalum, noAmasa unyana kaHadelayi, ema phambi kwabavela emkhosini;
28:13b.2CH.028.013 athi kubo, Ningabazisi apha abathinjwa, ukuze sibe netyala kuYehova; nifuna ukongeza esonweni sethu nasetyaleni lethu; ngokuba, inene, likhulu ityala lethu, nokuvutha komsindo kuphezu kwamaSirayeli.
28:14b.2CH.028.014 Abaxhobileyo babashiya ke abathinjwa namaxhoba phambi kwabathetheli nebandla lonke.
28:15b.2CH.028.015 Asuka ke amadoda akhankanywe ngamagama, abathabatha abathinjwa, abambathisa bonke ababeze phakathi kwabo ngamaxhoba, abambathisa, abanxiba iimbadada, abadlisa, abaseza, abathambisa, abathundeza ngamaesile bonke abatyhafileyo, abasa eYeriko, kumzi wamasundu, kubazalwana babo; wona abuya aya kwaSamari.
28:16b.2CH.028.016 Ngelo xesha ukumkani uAhazi wathumela ke kookumkani baseAsiriya ukuba baze kumnceda.
28:17b.2CH.028.017 Ngaphezu koko eza amaEdom, abulala amaYuda, athimba abathinjwa.
28:18b.2CH.028.018 NamaFilisti ayingenela imizi yasezintilini, neyasezantsi yakwaYuda, ayithimba iBhete-shemeshe, neAyalon, neGederoti, neSoko namagxamesi ayo, neTimna namagxamesi ayo, neGimzo namagxamesi ayo, ahlala khona.
28:19b.2CH.028.019 Ngokuba uYehova wawathoba amaYuda ngenxa ka-Ahazi, ukumkani wakwaSirayeli; ngokuba wenza inyala kwaYuda, wenza ubumenemene kuYehova.
28:20b.2CH.028.020 UTilegati-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wamfikela, wambandezela, akamomeleza;
28:21b.2CH.028.021 ngokuba uAhazi wayeyiphangile indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nabathetheli, wanika ukumkani waseAsiriya; akwamnceda nto noko.
28:22b.2CH.028.022 Ngexesha lokubandezelwa kwakhe waphinda wenza ubumenemene kuYehova, yena ukumkani uAhazi.
28:23b.2CH.028.023 Wabingelela kwizithixo zaseDamasko ezazimeyisile, wathi, Izithixo zookumkani bama-Aram ezawancedayo, ndobingelela kuzo; zondinceda nam. Ke zona zaba sisikhubekiso kuye nakumaSirayeli onke.
28:24b.2CH.028.024 UAhazi wazihlanganisa iimpahla zendlu kaThixo, wazinqunqa iimpahla zendlu kaThixo, wazivala iingcango zendlu kaYehova. Wazenzela izibingelelo ezimbombeni zonke zaseYerusalem,
28:25b.2CH.028.025 wenza iziganga emizini yonke ngaminye yakwaYuda, zokuqhumisela thixweni bambi; wamqumbisa uYehova uThixo wooyise.
28:26b.2CH.028.026 Ezinye izinto zakhe, neendlela zakhe zonke ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.
28:27b.2CH.028.027 UAhazi walala kooyise, bamngcwabela kuwo umzi oyiYerusalem; ke abamzisanga emangcwabeni ookumkani bakwaSirayeli. UHezekiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
29
29:1b.2CH.029.001 UHezekiya waba ngukumkani eminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAbhiya intombi kaZekariya.
29:2b.2CH.029.002 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uDavide uyise.
29:3b.2CH.029.003 Yena, ngomnyaka wokuqala wobukumkani bakhe, ngenyanga yokuqala, wazivula iingcango zendlu kaYehova, wazilungisa.
29:4b.2CH.029.004 Wabangenisa ababingeleli nabaLevi, wabahlanganisela ebaleni langasempumalanga, wathi kubo,
29:5b.2CH.029.005 Ndiphulaphuleni, baLevi; zingcwaliseni kaloku; yingcwaliseni indlu kaYehova, uThixo wooyihlo, nikukhuphe ukungcola okusendaweni engcwele.
29:6b.2CH.029.006 Ngokuba oobawo benza ubumenemene, benza okubi emehlweni kaYehova uThixo wethu, bamshiya, babusonga ubuso babo emnqubeni kaYehova, bawunikela ikhosi;
29:7b.2CH.029.007 kananjalo bazivala iingcango zevaranda, bazicima izibane, abaqhumisela ngesiqhumiso, abawanyusa amadini anyukayo engcweleni kuThixo kaSirayeli.
29:8b.2CH.029.008 Ngoko ke afikelwa amaYuda neYerusalem buburhalarhume bukaYehova, wawanikela aba yinto yokufeketha, neyokumangalisa, neyomsondlo, njengoko nikubonayo ngamehlo enu.
29:9b.2CH.029.009 Yabona, bawile oobawo likrele; oonyana bethu neentombi zethu nabafazi bethu basekuthinjweni ngenxa yoko.
29:10b.2CH.029.010 Ngoku ke kusentliziyweni yam ukumenzela umnqophiso uYehova uThixo kaSirayeli, kubuye kuthi ukuvutha komsindo wakhe.
29:11b.2CH.029.011 Nyana bam, kungokunje musani ukuhiliza; ngokuba uYehova uninyule, ukuze nime phambi kwakhe, nilungiselele kuye, nibe ngabalungiseleli nabaqhumiseli kuye.
29:12b.2CH.029.012 Basuka ke abaLevi, ooMahati unyana ka-Amasayi, noYoweli unyana ka-Azariya, koonyana bamaKohati; nakoonyana bakaMerari, uKishe unyana ka-Abhedi, noAzariya unyana kaYehaleleli; nakumaGershon, uYowa unyana kaZima, noEden unyana kaYowa;
29:13b.2CH.029.013 koonyana bakaElitsafan, uShimri noYehiyeli; nakoonyana baka-Asafu, uZekariya noMataniya;
29:14b.2CH.029.014 nakoonyana bakaHeman, uYehiyeli noShimehi; koonyana bakaYedutun, uShemaya noUziyeli.
29:15b.2CH.029.015 Babahlanganisa ke abazalwana babo, bazingcwalisa, bangena ngokomthetho wokumkani ngamazwi kaYehova, ukuyihlambulula indlu kaYehova.
29:16b.2CH.029.016 Bangena phakathi kwendlu kaThixo ababingeleli, ukuze bayihlambulule; bayikhupha yonke into eyinqambi abayifumanayo etempileni kaYehova, bayisa entendelezweni yendlu kaYehova. AbaLevi bayithabatha, ukuze bayikhuphele phandle, bayise emlanjaneni oyiKidron.
29:17b.2CH.029.017 Baqala ukungcwalisa ngomhla wokuqala, ngenyanga yokuqala; ngomhla wesibhozo wenyanga leyo bafika evarandeni kaYehova. Bayingcwalisa ke indlu kaYehova imihla esibhozo, bagqiba ngomhla weshumi elinesithandathu wenyanga yokuqala.
29:18b.2CH.029.018 Bangena baya kuHezekiya ukumkani, bathi, Siyihlambulule indlu yonke kaYehova, nesibingelelo sedini elinyukayo, neempahla zaso zonke, netafile yezonka ezicwangciswayo, neempahla zayo zonke.
29:19b.2CH.029.019 Neempahla zonke awazilahlayo uAhazi, ngexa lokulawula kwakhe ngokwenza ubumenemene, sizilungisile sazingcwalisa; nanzo ziphambi kwesibingelelo sikaYehova.
29:20b.2CH.029.020 Wavuka kusasa uHezekiya ukumkani, wabahlanganisa abathetheli bawo umzi; wenyuka waya endlwini kaYehova.
29:21b.2CH.029.021 Bazisa iinkunzi ezintsha zeenkomo zasixhenxe, neenkunzi zeegusha zasixhenxe, neemvana zasixhenxe, neenkunzi zeebhokhwe zasixhenxe, ukuba zibe lidini lesono ngenxa yobukumkani, nangenxa yendawo engcwele, nangenxa yamaYuda. Wathi koonyana baka-Aron, ababingeleli, mabenze amadini anyukayo esibingelelweni sikaYehova.
29:22b.2CH.029.022 Bazixhela iinkomo, ababingeleli balamkela igazi, balitshiza esibingelelweni; bazixhela iinkunzi zeegusha, balitshiza igazi esibingelelweni; bazixhela iimvana, balitshiza igazi esibingelelweni.
29:23b.2CH.029.023 Bazizisa iinkunzi zeebhokhwe zedini lesono phambi kokumkani nebandla, bacinezela ngezandla zabo phezu kwazo;
29:24b.2CH.029.024 bazixhela ababingeleli, ukuba bawacamagushele amaSirayeli onke, ngokulenza nyulu igazi lazo esibingelelweni; ngokuba ukumkani ebethe makenzelwe onke amaSirayeli idini elinyukayo nedini lesono.
29:25b.2CH.029.025 Wabamisa abaLevi endlwini kaYehova, benamacangci, benemirhubhe, beneehadi, ngokomthetho kaDavide, noGadi imboni yokumkani, noNatan umprofeti; ngokuba loo mthetho ubungokaYehova ngabaprofeti bakhe.
29:26b.2CH.029.026 Bema abaLevi benempahla kaDavide, ababingeleli benamaxilongo.
29:27b.2CH.029.027 Wathi uHezekiya, makunyuswe idini elinyukayo esibingelelweni. Lithe lakuqalwa idini elinyukayo, yaqala ingoma kaYehova namaxilongo, ngokokuhlabela kweempahla zikaDavide ukumkani wakwaSirayeli.
29:28b.2CH.029.028 Lonke ibandla laqubuda, iimvumi zivuma, abavutheli-maxilongo bevuthela; oko konke kwenziwa lada lagqitywa idini elinyukayo.
29:29b.2CH.029.029 Kwakugqitywa ukunyuswa idini elinyukayo, ukumkani nabo bonke abafumaneka benaye, baguqa baqubuda.
29:30b.2CH.029.030 Bathi ooHezekiya ukumkani nabathetheli, mabamdumise uYehova abaLevi ngamazwi kaDavide naka-Asafu imboni. Bamdumisa ke bada bavuya; bathoba, baqubuda.
29:31b.2CH.029.031 Waphendula uHezekiya wathi, Kungokunje nizingcwalisile kuYehova; yizani, nizise imibingelelo neyombulelo endlwini kaYehova. Layizisa ke ibandla imibingelelo neyombulelo; bonke ababeqhutywa yintliziyo, bazisa amadini anyukayo.
29:32b.2CH.029.032 Inani lamadini anyukayo elawazisayo ibandla, lalingamashumi asixhenxe eenkomo, nekhulu leenkunzi zeegusha, namakhulu amabini eemvana. Ezo zonke zaba zezedini elinyukayo kuYehova.
29:33b.2CH.029.033 Ezingcwalisiweyo iinkomo zaba ngamakhulu amathandathu, namawaka amathathu empahla emfutshane.
29:34b.2CH.029.034 Kodwa ababingeleli babembalwa, ababa nakuwahlinza onke amadini anyukayo; bababambisa ke abazalwana babo abaLevi, wada wagqitywa loo msebenzi, bada bazingcwalisa ababingeleli; ngokuba abaLevi babethe tye ngentliziyo ukuzingcwalisa, kunababingeleli.
29:35b.2CH.029.035 Kananjalo amadini anyukayo aba maninzi, enamanqatha emibingelelo yoxolo, neminikelo ethululwayo yawo amadini anyukayo; yaqiniselwa ke inkonzo yendlu kaYehova.
29:36b.2CH.029.036 Ke uHezekiya nabantu bonke bakuvuyela oko uThixo akuqinisele abantu; ngokuba le nto yenziwa ngesiquphe.
30
30:1b.2CH.030.001 Wathumela uHezekiya kuwo onke amaSirayeli namaYuda; kananjalo wabhala iincwadi eziya kumaEfrayim namaManase, ukuba kuziwe endlwini kaYehova eYerusalem, kwenziwe ipasika kuYehova, uThixo kaSirayeli.
30:2b.2CH.030.002 Ukumkani wacebisana nabathetheli bakhe nebandla lonke eYerusalem, ukuba kwenziwe ipasika ngeyesibini inyanga.
30:3b.2CH.030.003 Kuba babengenakuyenza ngexesha elililo; ngokuba ababingeleli baye bengazingcwalisanga ngokwaneleyo, nabantu baye bengazihlanganiselanga eYerusalem.
30:4b.2CH.030.004 Loo ndawo yathi tye emehlweni okumkani, nasemehlweni ebandla lonke.
30:5b.2CH.030.005 Bamisa indawo yokuba lihanjiswe ilizwi kumaSirayeli onke, kuthatyathelwe eBher-shebha, kuse kwaDan, ukuba baze kwenza ipasika kuYehova, uThixo wamaSirayeli, eYerusalem; ngokuba babengayenzanga bebaninzi, njengoko kubhaliweyo.
30:6b.2CH.030.006 Zahamba izigidimi zineencwadi ezivela ezandleni zokumkani nezabathetheli bakhe, zaya kuwo onke amaSirayeli namaYuda, zathi ngokomyalelo wokumkani, Nina, nyana bakaSirayeli, buyelani kuYehova, uThixo, ka-Abraham noIsake noSirayeli, abuyele kwabaseleyo kuni, abasindileyo esandleni sookumkani baseAsiriya.
30:7b.2CH.030.007 Musani ukuba njengooyihlo, nanjengabazalwana benu, abenza ubumenemene kuYehova, uThixo wooyihlo, wabanikela baba yinto yokumangalisa, njengoko nikubonayo.
30:8b.2CH.030.008 Musani ukuyenza lukhuni ngoku intamo yenu, njengooyihlo. Mnikeni uYehova isandla, nize engcweleni yakhe abeyingcwalisile ngonaphakade, nimkhonze uYehova uThixo wenu, kubuye kuni ukuvutha komsindo wakhe.
30:9b.2CH.030.009 Ngokuba, ukuba nithe nabuyela kuYehova, abazalwana benu noonyana benu bofumana imfesane kwababathimbileyo, babuyele kweli lizwe; ngokuba unobabalo, unemfesane uYehova uThixo wenu; akayi kubufihla kuni ubuso bakhe, ukuba nithe nabuyela kuye.
30:10b.2CH.030.010 Izigidimi ezo zathungela imizi ngemizi ezweni lakwaEfrayim nelakwaManase, zesa kwelakwaZebhulon. Bazihleka, bazigculela;
30:11b.2CH.030.011 kodwa amadoda athile akwa-Ashere nawakwaManase nawakwaZebhulon azithoba, eza eYerusalem.
30:12b.2CH.030.012 Kananjalo isandla sikaThixo sabakho kwaYuda, ukuba abanike ntliziyo-nye yokwenza umthetho wokumkani nowabathetheli, ngowelizwi likaYehova.
30:13b.2CH.030.013 Kwahlangana eYerusalem abantu abaninzi, ukuze benze umthendeleko wezonka ezingenagwele ngenyanga yesibini; baba libandla elikhulu kunene.
30:14b.2CH.030.014 Besuka, bazisusa izibingelelo ezibe ziseYerusalem, bazisusa zonke iziqhumiselo, baziphosa emlanjaneni oyiKidron.
30:15b.2CH.030.015 Bayixhela ipasika ngolweshumi elinesine usuku lweyesibini inyanga. Ababingeleli nabaLevi bazidanela, bazingcwalisa, bazisa amadini anyukayo endlwini kaYehova.
30:16b.2CH.030.016 Bema endaweni yabo ngokwesiko labo, ngokomyalelo kaMoses umfo wakwaThixo; ababingeleli balitshiza igazi layo ipasika, belithabatha esandleni sabaLevi;
30:17b.2CH.030.017 ngokuba babebaninzi ebandleni abe bengazingcwalisanga. AbaLevi bamela ukuxhela ipasika ngenxa yabantu bonke abaziinqambi, ukuba iimvana zingcwaliselwe kuYehova;
30:18b.2CH.030.018 ngokuba ubuninzi babantu, abaninzi ababevele kwaEfrayim nakwaManase, kwaIsakare nakwaZebhulon, baye bengazihlambululanga. Bayidla ipasika ngokungengamthetho; kodwa uHezekiya wabathandazela, esithi, Wanga uYehova olungileyo
30:19b.2CH.030.019 angamxolela elowo uyibhekise intliziyo yakhe ekumquqeleni uThixo uYehova, uThixo wooyise, nakuba kungengokwentlambululo yendawo engcwele.
30:20b.2CH.030.020 UYehova wamva uHezekiya, wabaphilisa abantu.
30:21b.2CH.030.021 Oonyana bakaSirayeli abafunyanwayo eYerusalem bawenza ke umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla esixhenxe, bevuya kakhulu, bemdumisa uYehova iimini ngeemini abaLevi nababingeleli, ngeempahla zokumzukisa uYehova.
30:22b.2CH.030.022 UHezekiya wathetha kakuhle nabo abaLevi bonke, ababenokuyiqonda kakuhle inkonzo kaYehova. Badla ke umthendeleko imihla esixhenxe, bebingelela imibingelelo yoxolo, bebulela kuYehova uThixo wooyise.
30:23b.2CH.030.023 Ibandla lonke lacebisana ukwenza nesinye isixhenxe semihla; basenza ke isixhenxe semihla, bevuya.
30:24b.2CH.030.024 Ngokuba uHezekiya ukumkani wakwaYuda walirhumela ibandla iwaka leenkunzi ezintsha zeenkomo, namawaka asixhenxe empahla emfutshane; nabathetheli balirhumela ibandla iwaka leenkunzi ezintsha zeenkomo, namawaka alishumi empahla emfutshane; bazingcwalisa ababingeleli abaninzi.
30:25b.2CH.030.025 Lavuya lonke ibandla lakwaYuda, nababingeleli nabaLevi, nebandla lonke elavela kwaSirayeli, nabasemzini, abavela kwaSirayeli kwanabahleli kwaYuda.
30:26b.2CH.030.026 Kwabakho uvuyo olukhulu ke eYerusalem; ngokuba kususela kwiimini zikaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wakwaSirayeli, akuzanga kubekho nto injalo eYerusalem.
30:27b.2CH.030.027 Besuka bema ababingeleli, abaLevi, babasikelela abantu; ilizwi labo laviwa, nomthandazo wabo wangena ekhayeni lakhe elingcwele emazulwini.
31
31:1b.2CH.031.001 Kwakugqitywa konke oko, aphuma onke amaSirayeli afumanekileyo khona, aya emizini yakwaYuda, aziqhekeza izimiso zamatye, abagawula ooAshera, azidiliza iziganga nezibingelelo kulo lonke elakwaYuda, nelakwaBhenjamin, nelakwaEfrayim, nelakwaManase, kwada kwagqitywa. Babuya bonke oonyana bakaSirayeli, elowo waya elifeni lakhe, emizini yakowabo.
31:2b.2CH.031.002 UHezekiya wawamisa amaqela ababingeleli nawabaLevi ngokwamaqela abo, elowo ngokomsebenzi wakhe, ababingeleli nabaLevi; wabamisela amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, ukuba balungiselele, babulele, badumise emasangweni eminquba kaYehova.
31:3b.2CH.031.003 Isabelo sokumkani sasempahleni yakhe saba sesamadini anyukayo, amadini anyukayo akusasa kwanawangokuhlwa, namadini anyukayo esabatha, nawokuthwasa kwenyanga, nawemithendeleko, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaYehova.
31:4b.2CH.031.004 UHezekiya wathi kubantu, kubemi baseYerusalem, mabanike isabelo sababingeleli nabaLevi, ukuze babambelele emyalelweni kaYehova.
31:5b.2CH.031.005 Lakuvakala elo lizwi, oonyana bakaSirayeli bazisa into eninzi yeziqhamo zokuqala zengqolowa, newayini, neoli, nobusi, nolibo lonke lwamasimi, bazisa kakhulu isishumi sezinto zonke.
31:6b.2CH.031.006 Oonyana bakaSirayeli nabakaYuda, abahleleliyo emizini yakwaYuda, nabo bazisa isishumi seenkomo, nesempahla emfutshane, nesishumi sezinto ezingcwele, ezibe zingcwaliselwe uYehova uThixo wabo, bazibeka iimfumba ngeemfumba.
31:7b.2CH.031.007 Baqala ngenyanga yesithathu ukuzenza iimfumba, bagqiba ngenyanga yesixhenxe.
31:8b.2CH.031.008 Beza ooHezekiya nabathetheli, bazibona iimfumba ezo, babulela kuYehova nakubantu bakhe amaSirayeli.
31:9b.2CH.031.009 Wababuza uHezekiya ababingeleli nabaLevi ngeemfumba ezo.
31:10b.2CH.031.010 Wathi uAzariya umbingeleli oyintloko, owendlu kaTsadoki, kuye, Kuseloko kwaqalwayo ukuziswa imirhumo endlwini kaYehova, side sahlutha, sashiya kakhulu; ngokuba uYehova ubasikelele abantu bakhe; le nto ingaka yeseleyo.
31:11b.2CH.031.011 Wathi uHezekiya, Makulungiswe amagumbi endlwini kaYehova; bazilungisa ke,
31:12b.2CH.031.012 bawungenisa umrhumo, nezishumi, nezinto ezingcwalisiweyo ngokukholekileyo. Umphathi wazo ibiyinganga uKonaniya umLevi, noShimehi umninawa wakhe, obengowesibini;
31:13b.2CH.031.013 noYehiyeli, noAzaziya, noNahati, noAsaheli, noYerimoti, noYozabhadi, noEliyeli, noIsemakiya, noMahati, noBhenaya, bengabaveleli phantsi kwesandla sikaKonaniya noShimehi umninawa wakhe, ngommiselo kaHezekiya ukumkani, noAzariya inganga yendlu kaThixo.
31:14b.2CH.031.014 UKore unyana kaImna, umLevi, ongowesango lasempumalanga, ubemele iminikelo kaThixo yabaqhutywa yintliziyo, ukuba awabe umrhumo kaYehova nezinto eziyingcwele kanye.
31:15b.2CH.031.015 Ngaphantsi kwesandla sakhe ibinguEden, noMinyamin, noYeshuwa, noShemaya, noAmariya, noShekaniya, emizini yababingeleli, ngokunyanisa, ukuba babele abazalwana babo ngamaqela, abakhulu kwanjengabancinane;
31:16b.2CH.031.016 iyodwa into eyindoda ebhalwe emilibeni yokuzalwa, ethabathele kominyaka mithathu ezelwe kwenyusa, kubo bonke abangenayo endlwini kaYehova ukwamkela into yemini, ngangemini yayo, yomsebenzi wabo, ezigxineni zabo ngokwamaqela abo.
31:17b.2CH.031.017 Ukubhalwa kwababingeleli emilibeni yokuzalwa kube kungokwezindlu zooyise; nabaLevi bebesezigxineni zabo ngokwamaqela abo, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe kwenyusa;
31:18b.2CH.031.018 ukuba kwabelwe iintsatshana zabo zonke ezibhaliweyo emilibeni yokuzalwa, abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, kwibandla lonke. Ngokuba ngokunyanisa kwabo bazingcwalisa ke ngezinto ezingcwele.
31:19b.2CH.031.019 Nangenxa yoonyana baka-Aron ababingeleli, ababesemhlabeni wamadlelo emizi yabo, emizini ngemizi yonke, kube kukho amadoda axeliweyo ngamagama, okuyabela izabelo into yonke eyindoda kubabingeleli, nabo bonke ababhaliweyo emilibeni yokuzalwa kubaLevi.
31:20b.2CH.031.020 Wenjenjalo uHezekiya kumaYuda onke; wenza okulungileyo, nokuthe tye, nokunyanisileyo, phambi koYehova uThixo wakhe;
31:21b.2CH.031.021 nasemsebenzini, nokuba nguwuphi, awawuqalayo wenkonzo yendlu kaThixo, nomyalelo, nomthetho, ukuba amquqele uThixo wakhe, wawenza ngentliziyo yakhe yonke, waphumelela.
32
32:1b.2CH.032.001 Emveni kwezi zinto noku kunyanisa, weza uSaneribhe, ukumkani waseAsiriya, walingenela elakwaYuda, wangqinga imizi enqatyisiweyo; wathi uya kuzigqobhozela.
32:2b.2CH.032.002 Wathi uHezekiya, akubona ukuba uyeza uSaneribe, ubuso bakhe ebubhekise ekulweni neYerusalem,
32:3b.2CH.032.003 wacebisana nabathetheli bakhe namagorha akhe, ukuba bawavale amanzi emithombo engaphandle komzi; bamnceda ke.
32:4b.2CH.032.004 Kwabuthelana abantu abaninzi, bawavala onke amaso emithombo, nomlanjana obuqukuqela phakathi kwelizwe; bathi, Yini na ukuba ookumkani baseAsiriya beze bafumane amanzi amaninzi?
32:5b.2CH.032.005 Wazomeleza, walwakha lonke udonga olwaludiliziwe, wenyusa iinqaba ezinde phezu kwalo, wakha nolunye udonga ngaphandle, wayiqinisela iMilo yomzi kaDavide, wenza izikhali neengweletshetshe ezininzi.
32:6b.2CH.032.006 Wamisa abathetheli bemfazwe phezu kwabantu; wababuthela kuye endaweni yembutho yasesangweni lomzi, wathetha kakuhle nabo, wathi,
32:7b.2CH.032.007 Yomelelani nikhaliphe; musani ukoyika; musani ukuqhiphuka umbilini ngukumkani waseAsiriya, nayingxokolo yonke anayo, ngokuba baninzi abangakuthi, phezu kwabangakuye.
32:8b.2CH.032.008 Okunaye yingalo yenyama, okunathi nguYehova uThixo wethu, ukuba asincede, alwe amadabi ethu. Abantu bayama emazwini kaHezekiya ukumkani wakwaYuda.
32:9b.2CH.032.009 Emveni koko uSaneribhe ukumkani waseAsiriya wathumela eYerusalem abakhonzi bakhe (yena engaseLakishe, enabalawuli bakhe bonke), kuHezekiya ukumkani wakwaYuda, nakumaYuda onke aseYerusalem, esithi,
32:10b.2CH.032.010 Utsho uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Nikholose ngantoni na, nihleli nje ekungqingweni eYerusalem?
32:11b.2CH.032.011 Akanilahlekisi uHezekiya yini na, ukuba aninikele ekufeni yindlala nakukunxanwa, ngokuthi oku, UYehova uThixo wenu wonihlangula esandleni sokumkani waseAsiriya?
32:12b.2CH.032.012 AsinguHezekiya na lo uzisusileyo iziganga zakhe nezibingelelo zakhe, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Qubudani phambi kwasibingelelo sinye, niqhumisele phezu kwaso?
32:13b.2CH.032.013 Aniyazi na into endayenzayo, mna noobawo, ezizweni zonke zamazwe la? Baba nako nokuba nako na oothixo beentlanga zamazwe la, ukuwahlangula amazwe azo esandleni sam?
32:14b.2CH.032.014 Nguwuphi na koothixo bonke bezo ntlanga, bazisingela phantsi oobawo, owaba nako ukubahlangula abantu bakhe esandleni sam, ukuba abe nako uThixo wenu ukunihlangula esandleni sam?
32:15b.2CH.032.015 Ke ngoko makanganilukuhli uHezekiya, makanganikhohlisi ngokunjalo. Musani ukukholwa nguye; ngokuba akubangakho namnye uthixo wazo zonke iintlanga nezikumkani, owaba nako ukuhlangula abantu bakhe esandleni sam, nasesandleni soobawo; wobeka phi na ke yena uThixo wenu? Akayi kunihlangula esandleni sam.
32:16b.2CH.032.016 Babuya bathetha abakhonzi bakhe ngoYehova uThixo, nangoHezekiya umkhonzi wakhe.
32:17b.2CH.032.017 Wabhala incwadi yokumngcikiva uYehova uThixo kaSirayeli, ethetha ngaye esithi, Njengokuba oothixo beentlanga zamazwe bengabahlangulanga abantu babo esandleni sam, ngokunjalo akayi kubahlangula noThixo kaHezekiya abantu bakhe esandleni sam.
32:18b.2CH.032.018 Bamemeza ngelizwi elikhulu ngesiYuda ebantwini baseYerusalem ababeseludongeni, beboyikisa, bebaphelisa amandla, ukuze bawuthimbe loo mzi.
32:19b.2CH.032.019 Bathetha ngoThixo weYerusalem njengoothixo bezizwe zehlabathi, umsebenzi wezandla zabantu.
32:20b.2CH.032.020 Bathandaza ke uHezekiya ukumkani, noIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti, ngenxa yoko; bakhala, basingisa emazulwini.
32:21b.2CH.032.021 UYehova wathuma isithunywa sezulu, sawenza athi shwaka onke amagorha anobukroti, neenganga, nabathetheli, emkhosini wokumkani waseAsiriya. Wabuya, ubuso bakhe buthe khunubembe, waya ezweni lakhe. Wangena endlwini yothixo wakhe; bathi ababephume ezibilinini zakhe bamwisa khona ngekrele.
32:22b.2CH.032.022 UYehova wamsindisa ke uHezekiya nabemi baseYerusalem esandleni sikaSaneribhe ukumkani waseAsiriya, nasesandleni sabangabambi; wabakhusela ngeenxa zonke.
32:23b.2CH.032.023 Baba baninzi abazisa umnikelo kuYehova eYerusalem, nezinto ezinqabileyo kuHezekiya ukumkani wakwaYuda. Waphakanyiswa emehlweni eentlanga zonke emveni koko.
32:24b.2CH.032.024 Ngezo mini wayesifa uHezekiya, wayeza kufa, wathandaza kuYehova; wathetha naye, wamnika umqondiso.
32:25b.2CH.032.025 Ke uHezekiya akabuyekezanga njengokuphathwa kwakhe; ngokuba intliziyo yakhe yaphakama. Bafikelwa buburhalarhume, yena namaYuda neYerusalem.
32:26b.2CH.032.026 Wazithoba uHezekiya ekuphakameni kwentliziyo yakhe, yena nabemi baseYerusalem; ababafikela ngemihla kaHezekiya uburhalarhume bukaYehova.
32:27b.2CH.032.027 UHezekiya ubenobutyebi nozuko olukhulu kunene, wazenzela izindlu zobuncwane besilivere, nobegolide, nobamatye anqabileyo, nobobulawu, nobeengweletshetshe, nobeempahla zonke ezinqwenelekayo,
32:28b.2CH.032.028 noovimba bendyebo yengqolowa, neyewayini, neyeoli, nezitali zeentlobo zonke zeenkomo, nezibaya zemihlambi.
32:29b.2CH.032.029 Wazenzela imizi yabalusi bemfuyo yempahla emfutshane, neyeenkomo ezininzi; ngokuba uThixo ubemnike impahla eninzi kunene.
32:30b.2CH.032.030 UHezekiya lo walivala ithende eliphezulu lamanzi aseGihon, wawahambisa ngaphantsi, esinga ngasentshonalanga komzi kaDavide. UHezekiya waphumelela emsebenzini wakhe wonke.
32:31b.2CH.032.031 Kodwa ke emcimbini wabathunywa abangamakhumsha, abathetheli baseBhabheli, ababethunyiwe kuye, bebuzisa ngesimanga esabakho ezweni lakhe, uThixo wamshiya, ukuba amlinge, akwazi konke okusentliziyweni yakhe.
32:32b.2CH.032.032 Ezinye izinto zikaHezekiya, nokwenza kwakhe ngenceba, nanko kubhaliwe embonweni kaIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti, encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.
32:33b.2CH.032.033 UHezekiya walala kooyise; bamngcwabela endulini yamangcwaba oonyana bakaDavide. Amzukisa ekufeni kwakhe amaYuda nabemi baseYerusalem. UManase, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
33
33:1b.2CH.033.001 UManase ubeminyaka ilishumi linamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamihlanu engukumkani eYerusalem.
33:2b.2CH.033.002 Wenza okubi emehlweni kaYehova, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
33:3b.2CH.033.003 Wabuya wazakha iziganga, awazidilizayo uHezekiya uyise; wabamisela ooBhahali izibingelelo, wenza ooAshera, wawunqula umkhosi wonke wezulu, wawukhonza.
33:4b.2CH.033.004 Wazakha izibingelelo endlwini kaYehova, awathi uYehova, KuseYerusalem apho liya kuba khona igama lam ngonaphakade.
33:5b.2CH.033.005 Wawakhela izibingelelo wonke umkhosi wezulu ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova.
33:6b.2CH.033.006 Yena wabacandisa oonyana bakhe emlilweni, emfuleni wakwaBhen-hinom, waba litola, wahlaba izihlabo, wakhafula, wamisa abaneshologu noosiyazi, wakwandisa ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise.
33:7b.2CH.033.007 Wawumisa umfanekiso oqingqiweyo abewenzile, endlwini kaThixo, awathi uThixo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kuyo le ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli, ndiya kulibeka khona igama lam ngonaphakade,
33:8b.2CH.033.008 ndingaphindi ndilususe unyawo lwamaSirayeli emhlabeni endawumisela ooyihlo; kodwa mababe bayakugcina ukukwenza konke endibawisele umthetho ngako, ngokomyalelo wonke nemimiselo namasiko, ngesandla sikaMoses.
33:9b.2CH.033.009 Ke uManase wawalahlekisa amaYuda nabemi baseYerusalem, ukuba benze okubi, ngaphezu kweentlanga awazitshabalalisayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
33:10b.2CH.033.010 UYehova wathetha kuManase nakubantu bakhe; abaphulaphula.
33:11b.2CH.033.011 UYehova wabafikisela abathetheli bomkhosi wokumkani waseAsiriya; bambamba uManase ngamakhonkco, bamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, bamsa eBhabheli.
33:12b.2CH.033.012 Ekubandezelweni kwakhe wambongoza uYehova uThixo wakhe, wazithoba kakhulu phambi koThixo wooyise.
33:13b.2CH.033.013 Wathandaza kuye, wathandazeka yena nguye, wakuva ukutarhuzisa kwakhe, wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe. Wazi ke uManase ukuba uYehova nguye onguThixo.
33:14b.2CH.033.014 Emveni koko wakha udonga olungaphandle lomzi kaDavide ngasentshonalanga, lwaya eGihon esihlanjeni, lwaya ekungeneni ngesango leentlanzi, wayizunguleza iOfele, waluphakamisa kakhulu. Wamisa abathetheli bempi emizini yonke enqatyisiweyo kwaYuda.
33:15b.2CH.033.015 Wabasusa oothixo bolunye uhlanga nemifanekiso endlwini kaYehova, nezibingelelo zonke abezakhe entabeni yendlu kaYehova, naseYerusalem; waziphosa ngaphandle komzi.
33:16b.2CH.033.016 Wakha isibingelelo sikaYehova, wabingelela phezu kwaso imibingelelo yoxolo neyombulelo; wathi kumaYuda makamkhonze uYehova, uThixo kaSirayeli.
33:17b.2CH.033.017 Abantu bebesabingelela noko ezigangeni; kodwa babingelela ke kuYehova uThixo wabo yedwa.
33:18b.2CH.033.018 Ezinye izinto zikaManase, nomthandazo wakhe kuThixo, nokuthetha kweemboni ezibe zithetha kuye egameni likaYehova, uThixo kaSirayeli, nanzo zisemicimbini yookumkani bakwaSirayeli.
33:19b.2CH.033.019 Nomthandazo wakhe, nokuthandazeka kukaThixo nguye, nezono zakhe, nokumeneza kwakhe, neendawo awakhela kuzo iziganga, wamisa ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo, engekazithobi, nanzo zibhaliwe emicimbini kaHozayi.
33:20b.2CH.033.020 UManase walala kooyise, wangcwatyelwa endlwini yakhe, uAmon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
33:21b.2CH.033.021 UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem.
33:22b.2CH.033.022 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise. UAmon wabingelela kwimifanekiso yonke eqingqiweyo awayenzayo uManase uyise, wayikhonza.
33:23b.2CH.033.023 Akazithobanga phambi koYehova, njengoko wazithobayo uManase uyise; ke yena lo Amon walikhulisa ityala.
33:24b.2CH.033.024 Abakhonzi bakhe bamceba, bambulala endlwini yakhe.
33:25b.2CH.033.025 Abantu belizwe bababulala bonke abacebi abo bokumkani uAmon. Abantu belizwe bamenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.
34
34:1b.2CH.034.001 UYosiya ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mathathu anamnye engukumkani eYerusalem.
34:2b.2CH.034.002 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, wahamba ngeendlela zikaDavide uyise, akatyekela ngasekunene nangasekhohlo.
34:3b.2CH.034.003 Ngomnyaka wesibhozo wobukumkani bakhe, esemncinane, waqala wamquqela uThixo kaDavide uyise, nangomnyaka weshumi elinesibini waqala wawahlambulula amaYuda neYerusalem, kwiziganga, nooAshera, nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo.
34:4b.2CH.034.004 Bazidiliza phambi kwakhe izibingelelo zooBhahali, neentsika zelanga ezibe ziphezu kwazo, wazigawula; ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo wayaphula, wayicola yaluthuli, wayisasaza phezu kwamangcwaba abo babebingelele kuyo.
34:5b.2CH.034.005 Wawatshisa amathambo ababingeleli phezu kwezibingelelo zabo, wawahlambulula ke amaYuda neYerusalem.
34:6b.2CH.034.006 Nasemizini yakwaManase neyakwaEfrayim neyakwaSimon, kwesa kweyakwaNafetali, emanxuweni azo ngeenxa zonke,
34:7b.2CH.034.007 wazidiliza izibingelelo, wabaqoba ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo, wayicola yaluthuli; wazigawula zonke iintsika zelanga ezweni lonke lakwaSirayeli, wabuyela eYerusalem.
34:8b.2CH.034.008 Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wobukumkani bakhe, ekulihlambululeni kwakhe ilizwe elo nendlu leyo, wathuma uShafan unyana ka-Atsaliya, noMahaseya umphathi womzi, noYowa unyana kaYowahazi, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, ukuba bayihlaziye indlu kaYehova uThixo wakhe.
34:9b.2CH.034.009 Beza kuHilekiya umbingeleli oyintloko, bayinikela imali ebizisiwe endlwini kaThixo, abayibuthayo abaLevi, abagcini-mnyango, eyabe ivele esandleni samaManase namaEfrayim, nakumaqongqolo onke akwaSirayeli, nakuwo onke amaYuda namaBhenjamin; babuyela eYerusalem.
34:10b.2CH.034.010 Bayinikela esandleni sabenzi bomsebenzi, ababephethe indlu kaYehova; bayinikela kubenzi bomsebenzi ababesebenza endlwini kaYehova, ukuba bayilungise bayihlaziye indlu leyo;
34:11b.2CH.034.011 bayinikela ke kwiingcibi zemithi nakubakhi, ukuba kuthengwe amatye axholiweyo, nemithi yemiqadi yokuhlanganisa, neyophahla lwezindlu, ababeziwisile ookumkani bakwaYuda.
34:12b.2CH.034.012 Amadoda lawo ebesebenza kuloo msebenzi enyanisekile; abaphathi bawo nguYahati no-Obhadiya, abaLevi, bakoonyana bakaMerari; noZekariya noMeshulam, bakoonyana bakaKehati, abokongamela; nabaLevi bonke abo baziqondayo iimpahla zokuvuma.
34:13b.2CH.034.013 Babephethe abathwali bemithwalo, bebongamele bonke abasebenzi bomsebenzi ngomsebenzi; abanye abaLevi babengababhali namagosa nabamasango.
34:14b.2CH.034.014 Ekuyikhupheni kwabo imali ebiziswe endlwini kaYehova, uHilekiya umbingeleli wayifumana Incwadi yomyalelo kaYehova, eyabhalwa ngesandla sikaMoses.
34:15b.2CH.034.015 Waphendula uHilekiya, wathi kuShafan umbhali, Ndiyifumene incwadi leyo yomyalelo endlwini kaYehova. UHilekiya wayinika uShafan le ncwadi.
34:16b.2CH.034.016 UShafan wayizisa incwadi kukumkani; kanjako wambuyisela ilizwi ukumkani esithi, Konke obekunikelwe esandleni sabakhonzi bakho, bayakwenza;
34:17b.2CH.034.017 bayikhuphele imali eyafumanekayo endlwini kaYehova, bayinikela esandleni sabaphathi, nasesandleni sabenzi bomsebenzi.
34:18b.2CH.034.018 UShafan umbhali waxela kukumkani esithi, UHilekiya umbingeleli undinike incwadi. Wayilesa uShafan phambi kokumkani.
34:19b.2CH.034.019 Kwathi akuweva ukumkani amazwi omyalelo, wasuka wazikrazula iingubo zakhe.
34:20b.2CH.034.020 Ukumkani wabawisela umthetho ooHilekiya, noAhikam unyana kaShafan, noAbhedon unyana kaMika, noShafan umbhali, noAsaya umkhonzi wokumkani, esithi,
34:21b.2CH.034.021 Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yamasalela akwaSirayeli nakwaYuda, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo; ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova, obuphalazelwe phezu kwethu, ngenxa enokuba oobawo bengaligcinanga ilizwi likaYehova, ukuba benze njengoko konke kubhaliweyo kule ncwadi.
34:22b.2CH.034.022 Waya ke uHilekiya nabakwakumkani kuHulida umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTokeha, unyana kaHasera, umgcini-ngubo; waye yena ehleli eYerusalem kwesesibini isahlulo sayo. Bathetha kuye ngolo hlobo.
34:23b.2CH.034.023 Wathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nothi kuloo ndoda inithumileyo kum,
34:24b.2CH.034.024 Utsho uYehova ukuthi, Yabona ndiyizisela le ndawo nabemi bayo ububi, zonke iziqalekiso ezibhaliweyo encwadini, abayilesileyo phambi kokumkani wakwaYuda;
34:25b.2CH.034.025 ngethuba lokuba bandishiyayo, baqhumisela thixweni bambi, ukuze bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo; ngoko bophalazwa ke ubushushu bam kule ndawo, bungabi nakucinywa.
34:26b.2CH.034.026 Ke kukumkani wakwaYuda, onithume ukuba nibuzise kuYehova, notsho kuye ukuthi, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Okwala mazwi uwavileyo,
34:27b.2CH.034.027 ngokokuba ibithambile intliziyo yakho, wasuka wazithoba ebusweni bukaThixo ekuweveni kwakho amazwi akhe, malunga nale ndawo nabemi bayo; wazithoba phambi kwam, wazikrazula iingubo zakho, walila phambi kwam: nam ndikuvile; utsho uYehova.
34:28b.2CH.034.028 Uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amelulo akho bonke ububi, endiyizisela bona le ndawo, nabemi bayo. Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.
34:29b.2CH.034.029 Wathumela ukumkani, kwahlanganiswa onke amadoda amakhulu akwaYuda neYerusalem.
34:30b.2CH.034.030 Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi baseYerusalem, nababingeleli, nabaLevi, nabantu bonke, kwathabathela komkhulu kwesa komncinane. Wawalesela ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso, eyafunyanwa endlwini kaYehova.
34:31b.2CH.034.031 Wema ukumkani phezu kwendawo yakhe ephakamileyo, wenza umnqophiso phambi koYehova wokulandela uYehova nokugcina imithetho yakhe, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, ukuba enze amazwi aloo mnqophiso abhaliweyo kule ncwadi.
34:32b.2CH.034.032 Wabamisa kuwo bonke abafumanekayo eYerusalem nakwaBhenjamin. Abemi baseYerusalem benza ke ngokomnqophiso kaThixo, uThixo wooyise.
34:33b.2CH.034.033 UYosiya wawasusa onke amasikizi emazweni onke, angawoonyana bakaSirayeli, wabakhonzisa bonke abafumanekayo kwaSirayeli, ukuba bakhonze uYehova uThixo wabo. Abatyekanga ekumlandeleni uYehova, uThixo wooyise yonke imihla yakhe.
35
35:1b.2CH.035.001 UYosiya wenza ipasika kuYehova eYerusalem; bayixhela ipasika ngosuku lweshumi elinesine lwenyanga yokuqala.
35:2b.2CH.035.002 Wabamisa ababingeleli phezu kwezigxina zabo, wabomelezela enkonzweni yabo yendlu kaYehova.
35:3b.2CH.035.003 Wathi kubaLevi ababeqondisa onke amaSirayeli, ababengcwele kuYehova, Yibekeni ityeya engcwele endlwini, awayakhayo uSolomon unyana kaDavide; ukumkani wakwaSirayeli; aniyi kuyithwala emagxeni. Mkhonzeni kaloku uYehova uThixo wenu, nabantu bakhe amaSirayeli.
35:4b.2CH.035.004 Zilungiseni ngokwezindlu zooyihlo, ngokwamaqela enu, ngokwesibhalo sikaDavide ukumkani wakwaSirayeli, nangokwesibhalo sikaSolomon unyana wakhe;
35:5b.2CH.035.005 nithi engcweleni nimele izahlulo zezindlu zooyise zabazalwana benu, oonyana babantu, iqela eli labaLevi limele indlu enye yooyise.
35:6b.2CH.035.006 Nize niyixhele ipasika, nizingcwalise, niyilungisele abazalwana benu, kwenziwe ngokwelizwi likaYehova ngesandla sikaMoses.
35:7b.2CH.035.007 UYosiya wabarhumela oonyana babantu, bonke abafunyanwayo khona, impahla emfutshane, iimvana, namatakane eebhokhwe, onke lawo angawepasika, engamawaka amashumi mathathu inani; namawaka amathathu eenkomo. Konke oko kwaphuma kwimfuyo yokumkani.
35:8b.2CH.035.008 Abathetheli bakhe babarhumela abantu nababingeleli nabaLevi iminikelo yabaqhutywa yintliziyo. UHilekiya, noZekariya, noYehiyeli, iinganga zendlu kaThixo, babanika ababingeleli amawaka amabini anamakhulu mathandathu amatakane angawepasika, namakhulu amathathu eenkomo.
35:9b.2CH.035.009 UKonaniya noShemaya, noNataniyeli, abazalwana bakhe, noHashabhiya, noYehiyeli, noYozabhadi, abathetheli babaLevi, babarhumela abaLevi amawaka amahlanu amatakane angawepasika, namakhulu omahlanu eenkomo.
35:10b.2CH.035.010 Yalungiswa ke inkonzo leyo; bema ababingeleli ezindaweni zabo, abaLevi emaqeleni abo, ngokomthetho wokumkani.
35:11b.2CH.035.011 Bayixhela ipasika; ababingeleli bathabatha igazi ezandleni zabo, balitshiza, abaLevi bahlinza.
35:12b.2CH.035.012 Bakususa okwamadini anyukayo, ukuba kunikelwe kwizahlulo zezindlu zooyise zoonyana babantu, kusondezwe kuYehova, njengoko kubhaliweyo encwadini kaMoses. Benjenjalo nangeenkomo.
35:13b.2CH.035.013 Bayosa ipasika ngomlilo ngokwesiko; izinto ezingcwalisiweyo bazipheka ngeembiza, nangongxawu, nangeepani, bagidimisa koonyana bonke babantu.
35:14b.2CH.035.014 Emveni koko bazilungisela ngokwabo kwanababingeleli ngokuba ababingeleli, oonyana baka-Aron, babenyusa amadini anyukayo namaqatha, kude kube sebusuku. Ke abaLevi bazilungisela ngokwabo kwanababingeleli, oonyana baka-Aron.
35:15b.2CH.035.015 Iimvumi, oonyana baka-Asafu, zibe zisezindaweni zazo ngokomthetho kaDavide, noAsafu, noHeman, noYedutun imboni yokumkani; nabamasango emasangweni ngamasango babengesuki enkonzweni yabo; ngokuba abazalwana babo abaLevi babebalungisela.
35:16b.2CH.035.016 Yalungiswa ke yonke inkonzo kaYehova, ngaloo mini yokwenza ipasika, nokunyusa amadini anyukayo esibingelelweni sikaYehova, ngokomthetho wokumkani uYosiya.
35:17b.2CH.035.017 Oonyana bakaSirayeli ababekho bayenza ipasika ngelo xesha, nomthendeleko wezonka ezingenagwele, imihla esixhenxe.
35:18b.2CH.035.018 Bekungazanga kwenziwe pasika ngokwaleyo kwaSirayeli, kususela kwimihla kaSamuweli umprofeti. Ookumkani bonke bakwaSirayeli abazanga benze pasika, ngokwaloo pasika wayenzayo uYosiya, nababingeleli, nabaLevi, nawo onke amaYuda namaSirayeli abekhona, nabemi baseYerusalem.
35:19b.2CH.035.019 Kwaba ngomnyaka weshumi elinesibhozo wobukumkani bukaYosiya, ukwenziwa kwaloo pasika.
35:20b.2CH.035.020 Emveni kwako konke ukuyilungisa kukaYosiya indlu leyo, kwenyuka uNeko, ukumkani waseYiputa, eza kulwa neKarkemishe ngase-Efrati; uYosiya waphuma, waya kulwa naye.
35:21b.2CH.035.021 Wathuma abathunywa kuye, wathi, Yintoni na enam nawe, kumkani wakwaYuda? Andize kulwa nawe namhla; ndize endlwini endilwa nayo; uThixo uthe mandikhawulezise; mkhwelele uThixo onam, angakutshabalalisi.
35:22b.2CH.035.022 Ke uYosiya akabusonganga ubuso bakhe kuye; wazenza mntu wumbi, ukuba alwe naye; akawaphulaphula amazwi kaNeko, aphuma emlonyeni kaThixo; weza kulwa esihlanjeni saseMegido.
35:23b.2CH.035.023 Abatoli bamtola ukumkani uYosiya; wathi ukumkani kubakhonzi bakhe, Ndishenxiseni, ngokuba ndingxwelerhwe kakubi.
35:24b.2CH.035.024 Abakhonzi bakhe bamthula enqwelweni, bamkhwelisa kweyesibini inqwelo abenayo, bamsa eYerusalem; wafa, wangcwatyelwa emangcwabeni ooyise. Onke amaYuda neYerusalem amenzela isijwili uYosiya.
35:25b.2CH.035.025 UYeremiya wamenzela isimbonono uYosiya; zathetha zonke iimvumi neemvumikazi ezimbononweni zazo ngoYosiya, unanamhla. Bazenza ummiselo kwaSirayeli; nanzo zibhaliwe ezimbononweni.
35:26b.2CH.035.026 Ezinye izinto zikaYosiya, nokwenza kwakhe inceba, njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaYehova,
35:27b.2CH.035.027 nezinto zakhe ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.
36
36:1b.2CH.036.001 Abantu belizwe bathabatha uYehowahazi, unyana kaYosiya, bamenza ukumkani esikhundleni sikayise eYerusalem.
36:2b.2CH.036.002 UYehowahazi ubeminyaka imashumi mabini anamithathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neenyanga ezintathu engukumkani eYerusalem.
36:3b.2CH.036.003 Ukumkani waseYiputa wamguzula eYerusalem, walihlawulisa ilizwe ikhulu leetalente zesilivere netalente yegolide.
36:4b.2CH.036.004 Ukumkani waseYiputa wamenza uEliyakim, umkhuluwa wakhe, ukuba abe ngukumkani kwaYuda neYerusalem, waliguqula igama lakhe laba nguYehoyakim. UNeko wamthabatha uYehowahazi, umninawa wakhe, wamsa eYiputa.
36:5b.2CH.036.005 UYehoyakim ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem. Wenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wakhe.
36:6b.2CH.036.006 Wenyuka uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, wameyisa, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, ukuba amse eBhabheli.
36:7b.2CH.036.007 UNebhukadenetsare wayisa inxenye yempahla yendlu kaYehova eBhabheli, wayibeka etempileni yakhe eBhabheli.
36:8b.2CH.036.008 Ezinye izinto zikaYehoyakim, namasikizi akhe awawenzayo, nokwafumanekayo kukuye, nanko kubhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda. Waba ngukumkani uYehoyakin, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.
36:9b.2CH.036.009 UYehoyakin ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neenyanga ezintathu ezineentsuku ezilishumi engukumkani eYerusalem; wenza okubi phambi koYehova.
36:10b.2CH.036.010 Ekuveleni komnyaka, ukumkani uNebhukadenetsare wathumela wamzisa eBhabheli, kunye neempahla ezinqwenelekayo zendlu kaYehova; wenza uZedekiya, umninawa wakhe, ukuba abe ngukumkani kwaYuda naseYerusalem.
36:11b.2CH.036.011 UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem.
36:12b.2CH.036.012 Wenza okubi phambi koYehova uThixo wakhe, akazithoba ebusweni bukaYeremiya umprofeti, obethetha okwasemlonyeni kaYehova.
36:13b.2CH.036.013 Kananjalo wagwilika kukumkani, kuNebhukadenetsare, obemfungise uThixo; waba ngontamo ilukuni, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze angabuyeli kuYehova, uThixo wakwaSirayeli.
36:14b.2CH.036.014 Kananjalo bonke abathetheli bababingeleli nabantu bandisa ukwenza ubumenemene ngokwamasikizi onke eentlanga; bayenza inqambi indlu kaYehova, awayingcwalisayo eYerusalem.
36:15b.2CH.036.015 UYehova, uThixo wooyise, wathumela kubo ngabathunywa bakhe, wanyameka ukuthumela; ngokuba wayenemfesane ngabantu bakhe, nekhaya lakhe.
36:16b.2CH.036.016 Baye bebagculela abathunywa bakaThixo, bewadela amazwi akhe, bebagxeka abaprofeti bakhe, bada benyuka ubushushu bukaYehova, beza kubantu bakhe, kwada akwabakho mpilo.
36:17b.2CH.036.017 Wabanyusela ukumkani wamaKaledi; wawabulala amadodana abo ngekrele endlwini yabo engcwele, akaconga ndodana nantombi, nandoda inkulu naxhego; bonke wabanikela esandleni sakhe.
36:18b.2CH.036.018 Zonke iimpahla zendlu kaThixo, ezinkulu nezincinane, nobuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bokumkani, nobabathetheli bakhe, zonke ezo zinto wazisa eBhabheli.
36:19b.2CH.036.019 Bayitshisa indlu kaThixo, baludiliza udonga lwaseYerusalem, bawatshisa ngomlilo onke amabhotwe ayo; bazitshabalalisa zonke iimpahla zayo ezinqwenelekayo.
36:20b.2CH.036.020 Wabafudusela eBhabheli abasindileyo ekreleni; baba ngabakhonzi kuye nakoonyana bakhe, bada bangena ubukumkani bamaPersi;
36:21b.2CH.036.021 ukuba lizaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, lide ilizwe lanele ziisabatha zalo; ngayo yonke imihla yokuba senkangala kwalo, laphumla, ukuba kuzaliswe iminyaka emashumi asixhenxe.
36:22b.2CH.036.022 Ke kaloku ngowokuqala umnyaka kaKoreshi, ukumkani wasePersi, ukuze kuzaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawuxhokonxa umoya kaKoreshi ukumkani wasePersi, wahambisa izwi ebukumkanini bakhe bonke, walibhala esithi,
36:23b.2CH.036.023 Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi ukuthi, Zonke izikumkani zehlabathi uzinike mna uYehova, uThixo wamazulu. Yena undiyalele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem ekwaYuda. Ubani ophakathi kwenu ebantwini bakhe bonke, uYehova uThixo wakhe makabe naye, anyuke.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. 2 Chronicles (Xhosa). 2 Chronicles (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C39D-B