2 Samuel (Xhosa)
1
1:1b.2SA.001.001 Kwathi emva kokufa kukaSawule, uDavide ebuyile ekuwabulaleni ama-Amaleki, wahlala uDavide eTsikelage imihla emibini.
1:2b.2SA.001.002 Kwathi ke ngomhla wesithathu, kwabonakala kuvela indoda emkhosini, kuSawule, zikrazukile iingubo zayo, inomhlaba entloko; kwathi ekuzeni kwayo kuDavide, yawa emhlabeni, yaqubuda.
1:3b.2SA.001.003 Wathi uDavide kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, Ndisabe emkhosini wamaSirayeli.
1:4b.2SA.001.004 Wathi uDavide kuyo, Kuthekeni na? Khawundixelele. Yathi, Hayi, babalekile abantu ekulweni; kananjalo kuwe into eninzi yabantu, yafa; kananjalo uSawule, noYonatan unyana wakhe, babulewe.
1:5b.2SA.001.005 Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Wazi ngani na, ukuba uSawule ufile, noYonatan unyana wakhe?
1:6b.2SA.001.006 Yathi indodana ebimxelela, Kuthe ukuthi gaxa kwam, ndafika ezintabeni zaseGilibhowa; nanku uSawule ayame ngentshuntshe yakhe; nabo abeenqwelo zokulwa nabamahashe bethene mbende naye.
1:7b.2SA.001.007 Uthe akubheka, wandibona, wandibiza; ndathi, Sendikho.
1:8b.2SA.001.008 Wathi kum, Ungubani na? Ndathi kuye, NdingumAmaleki.
1:9b.2SA.001.009 Wathi kum, Khawume phezu kwam, undibulale, ngokuba ndiphelelwe; kuba andikafi kanye.
1:10b.2SA.001.010 Ndema phezu kwakhe, ndambulala; ngokuba bendisazi ukuba akayi kuba saphila emva kokuwa kwakhe. Ndathabatha isithsaba esibe sisentlokweni yakhe, nesacholo esibe sisengalweni yakhe; ndizise zona apha kwinkosi yam.
1:11b.2SA.001.011 Wazibamba uDavide iingubo zakhe, wazikrazula, kwanamadoda akhe onke abenawo;
1:12b.2SA.001.012 bammbambazelela, balila, bakuzila ukudla kwada kwahlwa, ngenxa kaSawule, nangenxa kaYonatan unyana wakhe, nangenxa yabantu bakaYehova, nangenxa yendlu kaSirayeli; ngokuba bewile likrele.
1:13b.2SA.001.013 Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Ungowaphi na? Yathi, Ndingunyana wendoda engumhambi, umAmaleki.
1:14b.2SA.001.014 Wathi uDavide kuyo, Utheni ukuba ungoyiki ukusa isandla sakho, umbulale umthanjiswa kaYehova?
1:15b.2SA.001.015 UDavide wabiza enye yakumadodana, wathi, Sondela, uyibulale. Yayixabela ke, yafa.
1:16b.2SA.001.016 Wathi ke uDavide kuyo, Igazi lakho malibe sentlokweni yakho; ngokuba umlomo wakho ulingqina ngawe, usithi, Mna ndimbulele umthanjiswa kaYehova.
1:17b.2SA.001.017 Ke kaloku uDavide wasenza esi simbonono ngoSawule nangoYonatan unyana wakhe,
1:18b.2SA.001.018 wathi mabayifundiswe oonyana bakaYuda ingoma leyo yesaphetha; nantso ibhaliwe encwadini yOthe Tye.
1:19b.2SA.001.019 Imbalarha, Sirayeli, ibulewe emimangweni yakho! Hayi, ukuwa kwamagorha! Musani ukuxela eGati;
1:20b.2SA.001.020 Musani ukwenza zindaba ezitratweni zeAshkelon, Hleze zivuye iintombi zamaFilisti, Hleze zivuyelele iintombi zabangalukileyo.
1:21b.2SA.001.021 Nina zintaba zaseGilibhowa, Makungaze kubekho mbethe, makungaze kubekho mvula kuni, namasimi emirhumo; Ngokuba khona kwangcola iingweletshetshe zamagorha, Ingweletshetshe kaSawule, wanga waye engathanjiswanga ngeoli.
1:22b.2SA.001.022 Egazini labahlatyiweyo, emanqatheni amagorha, Isaphetha sikaYonatan besingabuyi umva, Ikrele likaSawule belingabuyi lilambatha.
1:23b.2SA.001.023 USawule noYonatan babeziinzwana, bethandeka ekudleni kwabo ubomi, Nasekufeni kwabo abahlukananga. Babenamendu ngaphezu kwamaxhalanga, Babenamandla ngaphezu kweengonyama.
1:24b.2SA.001.024 Zintombi zakwaSirayeli, mlileleni uSawule, Obenambesa iingubo ezibomvu, eniyolisa; Obeninxiba izihombo zegolide ezambathweni zenu.
1:25b.2SA.001.025 Hayi, ukuwa kwamagorha phakathi kwemfazwe! UYonatan ubulawelwe emimangweni yakho
1:26b.2SA.001.026 Ndibandezelekile ngenxa yakho, mzalwana wam Yonatan; Ubumnandi kakhulu kum; Kubalukekile ukundithanda kwakho Ngaphezu kokuthanda komntu oyinkazana.
1:27b.2SA.001.027 Hayi, ukuwa kwamagorha! Adakile amadoda okulwa!
2
2:1b.2SA.002.001 Kwathi emveni koko, wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndinyuke na ndiye emzini wakwaYuda? Wathi uYehova kuye, Nyuka. Wathi uDavide, Ndinyuke ndiye phi na? Wathi yena, EHebron.
2:2b.2SA.002.002 Wenyuka ke waya khona uDavide, nabafazi bakhe bobabini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele.
2:3b.2SA.002.003 Namadoda akhe abenawo wawanyusa uDavide, yayileyo nendlu yayo, ahlala emizini yaseHebron.
2:4b.2SA.002.004 Eza amadoda akwaYuda, amthambisa khona apho uDavide ukuba abe ngukumkani kwindlu yakwaYuda. Kwaxelwa kuDavide, kusithiwa, Amadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, ngawo awamngcwabayo uSawule.
2:5b.2SA.002.005 UDavide wathumela ke abathunywa kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, wathi kuwo, Manisikelelwe nguYehova nina, nayenzelayo inkosi yenu uSawule loo nceba, nayingcwaba.
2:6b.2SA.002.006 Ngoko uYehova makanenzele inceba nenyaniso; nam ndiya kunenzela oko kulungileyo, ngokuba nayenzayo loo nto.
2:7b.2SA.002.007 Ke kaloku mazomelele izandla zenu, nibe ngamadoda anobukroti; ngokuba ifile inkosi yenu uSawule. Kananjalo indithambisile indlu yakwaYuda ukuba ndibe ngukumkani wayo.
2:8b.2SA.002.008 Ke kaloku uAbhinere unyana kaNere, umthetheli womkhosi obungokaSawule, ebethabathe uIshbhoshete, unyana kaSawule, wamwezela eMahanayim,
2:9b.2SA.002.009 wamenza ukumkani eGiliyadi, nakuma-Askure, naseYizereli, nakwaEfrayim, nakwaBhenjamin, nakumaSirayeli onke.
2:10b.2SA.002.010 UIshbhoshete, unyana kaSawule, ebeminyaka imashumi mane ezelwe, ekwenziweni kwakhe ukumkani kumaSirayeli, wangukumkani iminyaka emibini. Kodwa indlu yakwaYuda yalandela uDavide.
2:11b.2SA.002.011 Inani lemihla uDavide abengukumkani kwindlu yakwaYuda eHebron, libe liyiminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.
2:12b.2SA.002.012 Waphuma uAbhinere unyana kaNere, nabakhonzi bakaIshbhoshete, unyana kaSawule, eMahanayim, baya eGibheyon.
2:13b.2SA.002.013 Baphuma uYowabhi unyana kaTseruya, nabakhonzi bakaDavide, baqubisana nabo echibini laseGibheyon. Bahlala aba echibini ngapha, bahlala abaya echibini ngaphaya.
2:14b.2SA.002.014 Wathi uAbhinere kuYowabhi, Amadodana makakhe asuke adlale phambi kwethu. Wathi uYowabhi, Makasuke.
2:15b.2SA.002.015 Kwesuka kwawela amanani: ishumi elinamabini lakwaBhenjamin, lakwaIshbhoshete unyana kaSawule, neshumi elinamabini kubakhonzi bakaDavide.
2:16b.2SA.002.016 Yaba ngulowo wabamba ummelwane wakhe ngentloko, nekrele lakhe lela ecaleni lowabo; bawa kunye ndaweni-nye. Kwathiwa ke le ndawo yiHelekati-hatsurim eseGibheyon.
2:17b.2SA.002.017 Kwaliwa kakhulu ngaloo mini. Wagxothwa uAbhinere namadoda akwaSirayeli phambi kwabakhonzi bakaDavide.
2:18b.2SA.002.018 Babelapho bobathathu oonyana bakaTseruya: uYowabhi, noAbhishayi, noAsaheli. Ke uAsaheli waye enamendu, enjengebhadi lasendle.
2:19b.2SA.002.019 UAsaheli wamsukela uAbhinere; akathi gu bucala aye ngasekunene nangasekhohlo emva koAbhinere.
2:20b.2SA.002.020 Wabheka uAbhinere, wathi, UnguAsaheli na? Wathi yena, Ndinguye.
2:21b.2SA.002.021 Wathi uAbhinere kuye, Tyekela ngasekunene kwakho, nokuba kungasekhohlo kwakho, ubambe enye kumadodana, uzithabathele isikrweqe sayo.
2:22b.2SA.002.022 Ke uAsaheli akavuma ukutyeka ekumlandeleni. Wabuya waphinda wathi uAbhinere kuAsaheli, Tyeka ekundilandeleni; yini na ukuba ndide ndikubethe, uwe emhlabeni? Ndothini na ukubuphakamisa ubuso bam kuYowabhi, umkhuluwa wakho? Akavuma ukutyeka.
2:23b.2SA.002.023 UAbhinere wamtsho ngoluthi lwentshuntshe esiswini; yaya kuphuma intshuntshe ngasemva. Wawa khona, wafela kuloo ndawo. Bathi bonke abafika kuloo ndawo wawa wafela kuyo uAsaheli, bee nqumama.
2:24b.2SA.002.024 OoYowabhi noAbhishayi bamsukela bamlandela uAbhinere, lada latshona ilanga; bada bafika edulini yeAma, ekhangelene neGiya, endleleni yentlango yeGibheyon.
2:25b.2SA.002.025 Bahlanganisana oonyana bakaBhenjamin, bamlandela uAbhinere, bambumba-nye, bema encotsheni yanduli-nye.
2:26b.2SA.002.026 Wamemeza uAbhinere kuYowabhi, wathi, Liya kumana ukudla na ikrele? Akwazi na ukuba kuya kuba krakra kamva? Kuya kuba mzuzu ungakanani na ungabaxeleli abantu, babuye ekusukeleni abazalwana babo?
2:27b.2SA.002.027 Wathi uYowabhi, Ehleli nje uYehova, ukuba bekungathelekiswanga nguwe, inene, ngebenyuswe bemka kwangokuya kwakusasa abantu, elowo akamsukela umzalwana wakhe.
2:28b.2SA.002.028 UYowabhi wavuthela isigodlo; bema bonke abantu, ababa sawasukela amaSirayeli, ababa saphinda balwe.
2:29b.2SA.002.029 UAbhinere namadoda akhe bahamba eArabha bonke obo busuku. Bayiwela iYordan, bayihamba yonke iBhitron, beza eMahanayim.
2:30b.2SA.002.030 Wabuya ke uYowabhi ekumsukeleni uAbhinere; wabahlanganisa abantu bonke, kwasweleka kubakhonzi bakaDavide ishumi elinesithoba lamadoda, noAsaheli.
2:31b.2SA.002.031 Ke abakhonzi bakaDavide babebulele, kumaBhenjamin nakuma doda akwa-Abhinere, amakhulu amathathu anamanci amathandathu amadoda, afa.
2:32b.2SA.002.032 Bamthabatha uAsaheli, bamngcwaba engcwabeni likayise eliseBhetelehem. Bahamba ke ubusuku bonke uYowabhi namadoda akhe, kwasa beseHebron.
3
3:1b.2SA.003.001 Ke kaloku yoluka imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide. UDavide waya esomelela ngokomelela; indlu kaSawule yaya incipha ngokuncipha.
3:2b.2SA.003.002 UDavide wazalelwa oonyana eHebron: owamazibulo waba nguAmnon ngoAhinowam waseYizereli;
3:3b.2SA.003.003 owesibini wabanguKiliyabhi ngoAbhigali, umkaNabhali waseKarmele; owesithathu waba nguAbhisalom, unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri;
3:4b.2SA.003.004 owesine waba nguAdoniya, unyana kaHagiti; owesihlanu waba nguShefatiya, unyana ka-Abhitali;
3:5b.2SA.003.005 owesithandathu waba nguItram, ngoEgla, umkaDavide. Wabazalelwa abo uDavide eHebron.
3:6b.2SA.003.006 Kwathi, kwakubon ukuba kukho imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide, uAbhinere wamana ukuzomelezela indlu kaSawule.
3:7b.2SA.003.007 Ke uSawule ebeneshweshwe eligama linguRitspa, intombi ka-Aya; wathi ke uIshbhoshete kuAbhinere, Yini na ukuba ulingene ishweshwe likabawo?
3:8b.2SA.003.008 Wavutha kakhulu ngumsindo uAbhinere ngamazwi kaIshbhoshete, wathi, Ndiyintloko yenja elunge kwaYuda yini na? Namhla ndiyenzela inceba indlu kaSawule uyihlo, kubazalwana bakhe, nakubahlobo bakhe; andikuyekelanga esandleni sikaDavide; kanti ke undivelele ngobugwenxa endibenze kule nkazana namhla.
3:9b.2SA.003.009 UThixo makenjenje kuAbhinere, aqokele ukwenjenje; njengoko uYehova wamfungelayo uDavide, ndiya kwenjenjalo kuye:
3:10b.2SA.003.010 ukubugqithisa ubukumkani endlwini kaSawule, kumiswe itrone kaDavide kwaSirayeli nakwaYuda, kuthabathele kwaDan kuse eBher-shebha.
3:11b.2SA.003.011 Akaba saba nako ukumphendula nezwi uAbhinere ngokumoyika.
3:12b.2SA.003.012 Wesusa esikhundleni sakhe uAbhinere abathunywa, baya kuDavide; esithi, Lelikabani na ilizwe? esithi, Yenza umnqophiso wakho nam; uyabona, isandla sam sinawe, ukuba aguqulelwe kuwe amaSirayeli onke.
3:13b.2SA.003.013 Wathi, Kulungile, ndowenza nawe umnqophiso. Kodwa kukho nto-nye ndiyifunayo kuwe; yile: akuyi kububona ubuso bam, ungamzisanga uMikali intombi kaSawule, wakuza kububona ubuso bam.
3:14b.2SA.003.014 UDavide wesusa abathunywa, baya kuIshbhoshete unyana kaSawule, esithi, Ndinike umkam uMikali, endamgana ngekhulu leenyama zokwaluswa zamaFilisti.
3:15b.2SA.003.015 Wathumela uIshbhoshete, wamthabatha kwindoda yakhe, kuPaltiyeli unyana kaLayishe.
3:16b.2SA.003.016 Yahamba naye ke indoda yakhe, imana ilila emva kwakhe, kwada kwezisa eBhahurim. Wathi uAbhinere kuyo, Hamba ubuye. Yabuya.
3:17b.2SA.003.017 Ke kaloku uAbhinere wayenelizwi kumadoda amakhulu akwaSirayeli, elithi, Kwangaphambili nibe nimfuna uDavide, ukuba abe ngukumkani kuni:
3:18b.2SA.003.018 yenzani kaloku, ngokuba uYehova utshilo kuDavide, ukuthi, Ndiya kubasindisa ngesandla sikaDavide, umkhonzi wam, abantu bam amaSirayeli esandleni samaFilisti, nasesandleni seentshaba zabo zonke.
3:19b.2SA.003.019 Kananjalo uAbhinere ebethethile ezindlebeni zamaBhenjamin; kanjalo uAbhinere waya kuthetha ezindlebeni zikaDavide eHebron konke okulungileyo phambi kwamaSirayeli, naphambi kwendlu yonke yakwaBhenjamin.
3:20b.2SA.003.020 Waya ke uAbhinere kuDavide eHebron, enamashumi amabini amadoda. UDavide wamenzela ke isidlo uAbhinere namadoda akhe abenawo.
3:21b.2SA.003.021 Wathi uAbhinere kuDavide, Ndiya kusuka ndiwahlanganisele enkosini yam ukumkani onke amaSirayeli, enze umnqophiso nawe, ube ngukumkani entweni yonke oyinqwenelayo umphefumlo wakho. UDavide wamndulula uAbhinere; wahamba exolile.
3:22b.2SA.003.022 Kwabonakala abakhonzi bakaDavide benoYowabhi, bevela emsebenzini wokututa, besiza namaxhoba amaninzi. Ke uAbhinere ebengasekhona kuDavide eHebron, ngokuba ubemndulule, wahamba exolile.
3:23b.2SA.003.023 Bafika ooYowabhi nomkhosi wonke anawo. Kwaxelwa kuYowabhi, kwathiwa, UAbhinere unyana kaNere ubezile kukumkani, wamndulula, wahamba exolile.
3:24b.2SA.003.024 Waya uYowabhi kukumkani, wathi, Yintoni na le uyenzileyo? Uyabona, ubezile uAbhinere kuwe; yintoni na le nto umndululeyo, wahamba wemka?
3:25b.2SA.003.025 Uyamazi uAbhinere unyana kaNere, ukuba ubeze kukuthomalalisa, ukuze akwazi ukuphuma kwakho nokungena kwakho, akwazi konke okwenzayo.
3:26b.2SA.003.026 Waphuma uYowabhi kuDavide, wathuma abathunywa; balandela uAbhinere, bambuyisa equleni laseSira, uDavide engazi.
3:27b.2SA.003.027 Wabuya ke uAbhinere weza eHebron. UYowabhi wamthabathela bucala phakathi kwesango, ukuba athethe naye ngasese. Wamgwaza esiswini, wafa, ngenxa yegazi lika-Asaheli umninawa wakhe.
3:28b.2SA.003.028 Weva uDavide emveni kokuba kunjalo, wathi, Ndimsulwa nobukumkani bam phambi koYehova, kude kuse ephakadeni, ngamagazi ka-Abhinere unyana kaNere;
3:29b.2SA.003.029 makabe phezu kwentloko kaYowabhi, naphezu kwendlu yonke kayise; makanganqunyulwa angabikho endlwini kaYowabhi umntu obhobhozayo, oneqhenqa, osimelela ngentonga, owa ngekrele, oswele ukudla.
3:30b.2SA.003.030 UYowabhi noAbhishayi umninawa wakhe bambulala ke uAbhinere, ngenxa enokuba ebembulele uAsaheli umninawa wabo eGibheyon emfazweni.
3:31b.2SA.003.031 Wathi uDavide kuYowabhi nakubantu bonke anabo, Krazulani iingubo zenu, nibhinqe ezirhwexayo, nimmbambazelele uAbhinere. UDavide ukumkani walilandela ithala.
3:32b.2SA.003.032 Bamngcwabela eHebron uAbhinere. Waliphakamisa ukumkani ilizwi lakhe, walila engcwabeni lika-Abhinere. Balila abantu bonke.
3:33b.2SA.003.033 Ukumkani wamenzela isimbonono uAbhinere, wathi, Angafa ngokufa kwesidenge na uAbhinere?
3:34b.2SA.003.034 Izandla zakho bezingakhonkxwanga, iinyawo zakho bezingafakwanga amakhamandela obhedu, Uwe njengowa phambi kwamabhedengu. Baphinda bonke abantu bamlilela.
3:35b.2SA.003.035 Bonke abantu beza kumdlisa uDavide isonka, kusesemini. Wafunga uDavide, esithi. UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje, ukuba ndithe, lingekatshoni ilanga, ndeva isonka, nokuba yinto eyiyimbi.
3:36b.2SA.003.036 Bakugqala oko bonke abantu, kwalunga emehlweni abo; njengokuba konke abekwenza ukumkani bekulunga emehlweni abantu bonke.
3:37b.2SA.003.037 Bazi ke abantu bonke namaSirayeli onke ngaloo mini, ukuba ukubulawa kuka-Abhinere, unyana kaNere, bekungaphume kukumkani.
3:38b.2SA.003.038 Wathi ukumkani kubakhonzi bakhe, Anazi na, ukuba namhlanje kuwe umthetheli, umntu omkhulu kwaSirayeli?
3:39b.2SA.003.039 Ke ndisebuthathaka, ndisathanjiswa namhla ukuba ndibe ngukumkani; la madoda, oonyana bakaTseruya, alukhuni kum. Akwaba uYehova angambuyekeza umenzi wobubi kwangobubi bakhe.
4
4:1b.2SA.004.001 Weva unyana kaSawule ukuba ufile uAbhinere eHebron, zawa izandla zakhe. Onke amaSirayeli akhwankqiswa yiloo nto.
4:2b.2SA.004.002 Unyana kaSawule ubenamadoda amabini angabathetheli bemikhosi. Igama lenye lalinguBhahana, igama leyesibini lalinguRekabhi; bengoonyana bakaRimon waseBheroti, kubo oonyana bakaBhenjamin. Ngokuba neBheroti ibibalelwa kwaBhenjamin:
4:3b.2SA.004.003 abaseBheroti babebalekele eGitayim, baba ngabaphambukeli khona unanamhla.
4:4b.2SA.004.004 Ke kaloku uYonatan unyana kaSawule ubenonyana ofe iinyawo; ebeminyaka mihlanu ezelwe, ukufika kodaba lukaSawule noYonatan eYizereli. Umondlikazi wakhe wesuka wamthabatha, wabaleka; kwathi, ekubalekeni kwakhe buphuthuphuthu, wawa, waba sisiqhwala. Igama lakhe belinguMefibhoshete.
4:5b.2SA.004.005 Bahamba oonyana bakaRimon waseBheroti, ooRekabhi noBhahana, ekufudumaleni kwemini, bafika endlwini kaIshbhoshete, elele emini enkulu.
4:6b.2SA.004.006 Bona bangena endlwini phakathi, ngokungathi baza kuthabatha ingqolowa, basuka bamtsho esiswini; basaba uRekabhi noBhahana umzalwana wakhe.
4:7b.2SA.004.007 Bangena ke endlwini, elele esingqengqelweni sakhe egumbini lakhe lokulala; bamhlaba, bambulala, bamnqumla intloko, bayithabatha intloko yakhe, bahamba ngendlela yeArabha bonke ubusuku.
4:8b.2SA.004.008 Bayisa intloko kaIshbhoshete kuDavide eHebron, bathi kukumkani, Nantsi intloko kaIshbhoshete unyana kaSawule, utshaba lwakho, elube lufuna umphefumlo wakho; uYehova uyiphindezelele inkosi yam namhla kuSawule, nakwimbewu yakhe.
4:9b.2SA.004.009 UDavide wabaphendula ooRekabhi noBhahana umzalwana wakhe, oonyana bakaRimon waseBheroti, wathi kubo, Ehleli nje uYehova, owukhululeyo umphefumlo wam ekubandezelekeni konke,
4:10b.2SA.004.010 ndathi, owandixelelayo ukuthi, Nanku uSawule efile, eba uzisa iindaba ezilungileyo, ndambamba, ndambulala eTsikelage, ukumnika umvuzo weendaba zakhe.
4:11b.2SA.004.011 Asikokukhona na ndiya kulibiza igazi layo esandleni senu, ndinitshayele elizweni, xa amadoda angendawo abulele indoda elilungisa endlwini yayo, esililini sayo?
4:12b.2SA.004.012 UDavide wawawisela amadodana akwakhe umthetho. Ababulala, abanqumla izandla neenyawo, azixhoma echibini eHebron; ke intloko kaIshbhoshete ayithabatha, ayingcwaba engcwabeni lika-Abhinere eHebron.
5
5:1b.2SA.005.001 Zeza zonke izizwe zakwaSirayeli kuDavide eHebron, zatsho ukuthi, Uyabona, silithambo lakho nenyama yakho.
5:2b.2SA.005.002 Kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani kuthi, ibinguwe obesakuphuma ungena namaSirayeli. UYehova wathi kuwe, Wena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli, wena uya kuba yinganga yamaSirayeli.
5:3b.2SA.005.003 Aya ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron. Wenza umnqophiso nawo ukumkani uDavide eHebron phambi koYehova; amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli.
5:4b.2SA.005.004 UDavide ubeminyaka imashumi mathathu ezelwe, ukwenziwa kwakhe ukumkani; waba neminyaka emashumi mane engukumkani.
5:5b.2SA.005.005 Waba ngukumkani wakwaYuda eHebron iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu; eYerusalem waba ngukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu kumaSirayeli onke namaYuda.
5:6b.2SA.005.006 Ukumkani waya namadoda akwakhe eYerusalem kumaYebhusi. Abemi belo zwe bathi kuDavide, Akusayi kungena apha; kuba iimfama neziqhwala zokugxotha. Batsho beba uDavide akasayi kungena apho.
5:7b.2SA.005.007 UDavide wayithimba imboniselo yeZiyon: ngumzi kaDavide ke lowo.
5:8b.2SA.005.008 Wathi uDavide ngaloo mini, Bonke abaxabela amaYebhusi, mabaziwise engxangxasini iziqhwala kwaneemfama ezithiyekileyo emphefumlweni kaDavide. Ngenxa yoko bathi, Iimfama neziqhwala aziyi kungena endlwini.
5:9b.2SA.005.009 UDavide wahlala emboniselweni, wayibiza ngokuthi ngumzi kaDavide. UDavide wakha ngeenxa zonke, wathabathela eMilo wesa phakathi.
5:10b.2SA.005.010 Waya uDavide eba mkhulu ngokuba mkhulu, uYehova uThixo wemikhosi waba naye.
5:11b.2SA.005.011 Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathumela abathunywa kuDavide, nemisedare, neengcibi zemithi, neengcibi zamatye eendonga; zamakhela uDavide indlu.
5:12b.2SA.005.012 Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile wangukumkani; ukuba ubuphakamisile ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.
5:13b.2SA.005.013 UDavide wabuya wazeka abafazi namashweshwe eYerusalem, emveni kokusuka kwakhe eHebron; wabuya wazalelwa oonyana neentombi uDavide.
5:14b.2SA.005.014 Ngawo la amagama abo wabazalelwayo eYerusalem: nguShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,
5:15b.2SA.005.015 noIbhehare, noElishuwa, noNefege, noYafiya,
5:16b.2SA.005.016 noElishama, noEliyada, noElifelete.
5:17b.2SA.005.017 Ke kaloku eva amaFilisti ukuba bamthambisile uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli: enyuka ke onke amaFilisti aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, wehla waya emboniselweni.
5:18b.2SA.005.018 AmaFilisti abezile, athi dwe entilini yamaRafa.
5:19b.2SA.005.019 Wabuza uDavide kuYehova, wathi, Ndinyuke na, ndiye kumaFilisti? Wowanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuDavide, Nyuka; ngokuba ndiwanikele mpela amaFilisti esandleni sakho.
5:20b.2SA.005.020 UDavide weza eBhahali-peratsim; uDavide wawaxabela khona, wathi, UYehova uzityhobozele iintshaba zam phambi kwam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.
5:21b.2SA.005.021 Azishiya izithixo zawo; bazithabatha uDavide namadoda akhe.
5:22b.2SA.005.022 Abuya aphinda enyuka amaFilisti, athi dwe entilini yamaRafa.
5:23b.2SA.005.023 Wabuza uDavide kuYehova, wathi yena, Uze ungenyuki; jikela emva kwawo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka.
5:24b.2SA.005.024 Kothi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ungxamise; ngokuba woba uphumile phambi kwakho uYehova ngelaxesha, ukuba ayixabele impi yamaFilisti.
5:25b.2SA.005.025 Wenjenjalo uDavide, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako; wawaxabela amaFilisti, wathabathela eGebha wada waya eGezere.
6
6:1b.2SA.006.001 Ke kaloku wabuya wabahlanganisa uDavide bonke abahleliweyo bakwaSirayeli: amashumi amathathu amawaka.
6:2b.2SA.006.002 Wesuka ke, wahamba uDavide nabantu bonke abenabo, esiya eBhahali yakwaYuda, esiya kunyusa khona ityeya kaThixo, ebizwa ngalo igama, igama likaYehova wemikhosi ohleli phezu kweekerubhi.
6:3b.2SA.006.003 Bayikhwelisa enqwelweni entsha ityeya kaThixo, bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi ebisendulini; u-Uza nonoAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi, beyiqhuba inqwelo entsha leyo.
6:4b.2SA.006.004 Bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi esendulini, inetyeya kaThixo, uAhiyo ehamba phambi kwetyeya.
6:5b.2SA.006.005 UDavide nendlu yonke kaSirayeli baqamba phambi koYehova, bebetha imithi yonke yesipres, neehadi, nemirhubhe, neengqongqo, namakhenkcekhenkce, namacangci.
6:6b.2SA.006.006 Bafika esandeni sikaNakon; wesa isandla sakhe u-Uza etyeyeni kaThixo, wayibamba; ngokuba iinkomo zibe ziyigungqisa.
6:7b.2SA.006.007 Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza; uThixo wambetha khona, ngenxa yemasi elo, wafela khona ngasetyeyeni kaThixo.
6:8b.2SA.006.008 UDavide wavutha ngumsindo ngenxa enokuba uYehova wamtyhobozela ngotyhobozo u-Uza, wathi loo ndawo yiPerets-uza unanamhla.
6:9b.2SA.006.009 UDavide wamoyika uYehova ngaloo mini, wathi, Yothini na ukuza kum ityeya kaYehova?
6:10b.2SA.006.010 Akavuma ke uDavide ukuyisusa ize kuye emzini kaDavide ityeya kaYehova; uDavide wayisonga, wayiphambukisela endlwini kaObhedi-edom waseGati.
6:11b.2SA.006.011 Yahlala ityeya kaYehova endlwini kaObhedi-edom waseGati iinyanga zantathu; uYehova wamsikelela uObhedi-edom, nendlu yakhe yonke.
6:12b.2SA.006.012 Kwaxelwa kukumkani uDavide, kwathiwa, Uyisikelele uYehova indlu kaObhedi-edom nezinto zonke anazo, ngenxa yetyeya kaThixo. Waya uDavide, wayinyusa ityeya kaThixo endlwini kaObhedi-edom, wayizisa emzini kaDavide evuya.
6:13b.2SA.006.013 Kwathi, bakunyathela amabanga amathandathu abathwali betyeya kaYehova, wabingelela inkomo nethole elityetyisiweyo.
6:14b.2SA.006.014 Waye uDavide esina ngamandla onke phambi koYehova, uDavide ebhinqe iefodi yelinen emhlophe.
6:15b.2SA.006.015 OoDavide nendlu yonke kaSirayeli babeyinyusa ke ityeya kaYehova, beduma, behlokomisa isigodlo.
6:16b.2SA.006.016 Kwathi, yakufika ityeya kaYehova emzini kaDavide, uMikali, intombi kaSawule, wavela ngefestile, wambona ukumkani uDavide exhuma esina phambi koYehova, wamcekisa entliziyweni yakhe.
6:17b.2SA.006.017 Bayingenisa ityeya kaYehova, bayimisa endaweni yayo phakathi kwentente, abeyitwabululele yona uDavide; uDavide wenyusa amadini anyukayo phambi koYehova, nemibingelelo yoxolo.
6:18b.2SA.006.018 Wagqiba uDavide ukunyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wabasikelela abantu, egameni likaYehova wemikhosi,
6:19b.2SA.006.019 wababela bonke abantu, yonke ingxokolo yamaSirayeli, kwathabathela kwindoda kwesa nakumfazi; elowo wamnika umqhathane wesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi. Baya ke bonke abantu elowo endlwini yakhe.
6:20b.2SA.006.020 Wabuya uDavide, eza kusikelela indlu yakhe. Waphuma uMikali intombi kaSawule, eya kukhawulela uDavide, wathi, Hayi, ukuzizukisa kokumkani wamaSirayeli namhla, ozihlubileyo namhla phambi kwabakhonzazana babakhonzi bakhe, njengoko azihlubayo umntu ongenabuntu.
6:21b.2SA.006.021 Wathi uDavide kuMikali, Kube kusebusweni bukaYehova, owandinyulayo phambi koyihlo, naphambi kwendlu yakhe yonke, ukuba andimise ndibe yinganga yabantu bakaYehova, amaSirayeli; bekusebusweni bukaYehova ukuqamba kwam;
6:22b.2SA.006.022 ndisaya kudeleka kunoko, ndithobeke emehlweni am; ke abakhonzazana othethe ngabo, ndisaya kuzukiswa ngabo.
6:23b.2SA.006.023 Ke uMikali intombi kaSawule akabanga namntwana kwada kwangumhla wokufa kwakhe.
7
7:1b.2SA.007.001 Kwathi, xa ukumkani ahleliyo endlwini yakhe, uYehova emphumzile ngeenxa zonke ezintshabeni zakhe zonke,
7:2b.2SA.007.002 wathi ukumkani kuNatan umprofeti, Khawukhangele, ndihleli endlwini yemisedare, ke yona ityeya kaThixo ihleli phakathi kwamalengalenga.
7:3b.2SA.007.003 Wathi uNatan kukumkani, Konke okusentliziyweni yakho, hamba uye ukwenze; ngokuba uYehova unawe.
7:4b.2SA.007.004 Kwathi ngobo busuku, lafika ilizwi likaYehova kuNatan, lisithi,
7:5b.2SA.007.005 Hamba uye kuthi kumkhonzi wam uDavide, Utsho uYehova ukuthi, Wena uya kundakhela indlu yokuba ndihlale na?
7:6b.2SA.007.006 Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kwimini endabanyusayo oonyana bakaSirayeli eYiputa, kude kube nanamhla; ndaba ngohambahamba ngentente engumnquba.
7:7b.2SA.007.007 Lonke ixesha endahambahamba ngalo phakathi koonyana bonke bakaSirayeli, ndakha ndalithetha na ilizwi nakusinye isizwe sakwaSirayeli endasiwisela umthetho wokuba sibaluse abantu bam amaSirayeli, ndisithi, Yini na ukuba ningandakheli indlu yemisedare?
7:8b.2SA.007.008 Ke ngoko wotsho ukuthi kumkhonzi wam uDavide, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndakuthabatha mna edlelweni, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yinganga yabantu bam amaSirayeli;
7:9b.2SA.007.009 ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho phambi kwakho, ndakwenzela igama elikhulu, njengegama labakhulu abasehlabathini;
7:10b.2SA.007.010 ndabamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndabatyala ukuba bahlale esikhundleni sabo, bangabi sagunqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babacinezele njengasekuqaleni,
7:11b.2SA.007.011 kususela kulaa mini ndabamisela abantu bam amaSirayeli abagwebi. Ndiya kukuphumza ezintshabeni zakho zonke. UYehova uyakuxelela ukuba uYehova uya kukwenzela indlu.
7:12b.2SA.007.012 Xa ithe yazaliseka imihla yakho, walala kooyihlo, ndoyiphakamisa emva kwakho imbewu yakho, eya kuphuma ezibilini zakho, ndibuqinise ubukumkani bakhe.
7:13b.2SA.007.013 Nguye oya kulakhela igama lam indlu, ndiyiqinise itrone yobukumkani bakhe, kude kuse ephakadeni.
7:14b.2SA.007.014 Mna ndiya kuba nguyise wakhe, yena abe ngunyana wam; endothi ebugwenxeni bakhe, ndimohlwaye ngentonga yabantu, nangobetho loonyana baka-Adam.
7:15b.2SA.007.015 Ke yona inceba yam ayiyi kusuka kuye, njengoko ndayisusayo kuSawule, endimsusileyo ebusweni bakho.
7:16b.2SA.007.016 Iya kuqina indlu yakho nobukumkani bakho kude kuse ephakadeni phambi kwakho; itrone yakho iya kuqiniseka kude kuse ephakadeni.
7:17b.2SA.007.017 Njengaloo mazwi onke, njengaloo mbono wonke, wenjenjalo ukuthetha uNatan kuDavide.
7:18b.2SA.007.018 Waya ukumkani uDavide, wahlala phambi koYehova, wathi, Ndingubani na, Nkosi yam Yehova? Iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha?
7:19b.2SA.007.019 Kusekuncinane oko ke emehlweni akho, Nkosi yam Yehova; uthetha ngoku nangendlu yomkhonzi wakho, usingise mgama. Le nto ke lisiko lomntu na, uNkosi yam Yehova?
7:20b.2SA.007.020 Angabuya abe esathetha ntoni na ke uDavide kuwe? Wena uyamazi umkhonzi wakho, Nkosi yam Yehova.
7:21b.2SA.007.021 Ngenxa yelizwi lakho, nangokwentliziyo yakho, ubenzile bonke obo bukhulu, ukuba ubazise umkhonzi wakho.
7:22b.2SA.007.022 Ngenxa yoko umkhulu, Yehova Thixo; ngokuba akukho unjengawe; akukho Thixo ngaphaya kwakho, njengoko konke sikuvileyo ngeendlebe zethu.
7:23b.2SA.007.023 Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho, olunjengamaSirayeli, awaya kuzikhululela uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba azimisele igama ngalo, anenzele izenzo ezikhulu nina, alenzele izenzo ezoyikekayo ilizwe lakho ebusweni babantu bakho, owazikhululelayo bona eYiputa, ezintlangeni nakoothixo bazo?
7:24b.2SA.007.024 Uziqinisele abantu bakho amaSirayeli, ukuba babe ngabantu kuwe kude kuse ephakadeni; wena, Yehova, waba nguThixo kubo.
7:25b.2SA.007.025 Kaloku, Yehova Thixo, ilizwi olithethileyo ngomkhonzi wakho, nangendlu yakhe, limise kude kuse ephakadeni, wenze njengoko ukuthethileyo;
7:26b.2SA.007.026 likhule igama lakho kude kuse ephakadeni; kusithiwa, UYehova wemikhosi nguThixo wamaSirayeli, nendlu yomkhonzi wakho uDavide izinzile phambi kwakho.
7:27b.2SA.007.027 Ngokuba wena, Yehova wemikhosi, Thixo kaSirayeli, utyhilile ezindlebeni zomkhonzi wakho, wathi, Ndiya kukwakhela indlu; ngenxa yoko umkhonzi wakho uyifumene intliziyo yokuze awuthandaze kuwe lo mthandazo.
7:28b.2SA.007.028 Kaloku, Nkosi yam Yehova, unguye uThixo; namazwi akho aya kuba yinyaniso. Uthethe oko kulungileyo kumkhonzi wakho;
7:29b.2SA.007.029 kaloku makukholeke kuwe ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, ukuba ihlale ihleli phambi kwakho ngonaphakade; ngokuba wena, Nkosi yam Yehova, uthethile. Ngentsikelelo yakho mayisikelelwe indlu yomkhonzi wakho ngonaphakade.
8
8:1b.2SA.008.001 Kwathi emveni kokuba njalo, uDavide wawaxabela amaFilisti, waweyisa; uDavide wabuthabatha ubukhosi esandleni samaFilisti.
8:2b.2SA.008.002 Wawaxabela amaMowabhi, wawalinganisa ngolutya, ewalalisa emhlabeni; walinganisa izintya zambini zokubulala, nolutya lwalunye oluzalisekileyo lokusindisa. Ke amaMowabhi aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo.
8:3b.2SA.008.003 UDavide wamxabela uHadadezere, unyana kaRehobhi, ukumkani weTsobha, ekuyeni kuwabuyisa amandla akhe emlanjeni ongumEfrati.
8:4b.2SA.008.004 UDavide wathimba iwaka leenqwelo zokulwa, namakhulu asixhenxe abamahashe, namashumi amabini amawaka angumqikela; uDavide wawanqumla imisipha onke amahashe eenqwelo zokulwa, washiya kuwo aweenqwelo alikhulu.
8:5b.2SA.008.005 Ama-Aram aseDamasko eza kumnceda uHadadezere ukumkani weTsobha. UDavide wabulala kuma-Aram amashumi amabini anamabini amawaka amadoda.
8:6b.2SA.008.006 UDavide wamisa ikampu kwa-Aram eDamasko; ama-Aram aba ngabakhonzi bakaDavide, azisa iminikelo. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.
8:7b.2SA.008.007 Wawathabatha uDavide amakhaka egolide abekubakhonzi bakaHadadezere, wawazisa eYerusalem.
8:8b.2SA.008.008 NaseBheta naseBherotayi, imizi kaHadadezere, uDavide ukumkani wathabatha ubhedu oluninzi kunene.
8:9b.2SA.008.009 Weva uToyi ukumkani waseHamati, ukuba uDavide uyixabele yonke impi kaHadadezere.
8:10b.2SA.008.010 UToyi wamthuma uYoram, unyana wakhe, kukumkani uDavide, ukuba ambuze ukuphila kwakhe, amsikelele ngenxa yokuba ebelwile noHadadezere wamxabela; ngokuba uToyi ubengumfo obesilwa noHadadezere; waye uYoram lowo eneempahla zesilivere, neempahla zegolide, neempahla zobhedu esandleni sakhe.
8:11b.2SA.008.011 Ukumkani uDavide wazingcwalisela kuYehova kananjalo ezo, kunye nesilivere negolide abeyingcwalisile, eyavela ezintlangeni zonke awazeyisayo:
8:12b.2SA.008.012 kuma-Aram, nakumaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, nakuma-Amaleki, nakumaxhoba kaHadadezere unyana kaRehobhi, ukumkani weTsobha.
8:13b.2SA.008.013 Wazenzela igama uDavide ekubuyeni kwakhe ekuwaxabeleni ama-Aram eSihlanjeni seTyuwa, ebulele ishumi elinesibhozo lamawaka.
8:14b.2SA.008.014 Wamisa ikampu kwelamaEdom; wamisa ikampu kwelamaEdom lonke, aba ngabakhonzi kuDavide onke amaEdom. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.
8:15b.2SA.008.015 Waye engukumkani ke uDavide kumaSirayeli onke. Waye uDavide esenza okusesikweni nobulungisa ebantwini bakhe bonke.
8:16b.2SA.008.016 Ke uYowabhi, unyana kaTseruya, wayephethe umkhosi; noYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, wayengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu.
8:17b.2SA.008.017 UTsadoki unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, baye bengababingeleli; uSeraya waye engumbhali;
8:18b.2SA.008.018 uBhenaya, unyana kaYehoyada, ubephethe abancinithi nezigidimi. Oonyana bakaDavide babengababingeleli.
9
9:1b.2SA.009.001 Wathi uDavide, Kusekho mpunde na kwindlu kaSawule, ukuze ndiyenzele inceba ngenxa kaYonatan?
9:2b.2SA.009.002 Ke indlu kaSawule ibinomkhonzi ogama linguTsibha; bambizela kuDavide. Wathi ukumkani kuye, UnguTsibha na? Wathi yena, Ndingumkhonzi wakho.
9:3b.2SA.009.003 Wathi ukumkani, Akusekho namnye na umntu wendlu kaSawule, ndimenzele inceba kaThixo? Wathi ke uTsibha kukumkani, Kusekho unyana kaYonatan, ofe iinyawo.
9:4b.2SA.009.004 Wathi ukumkani kuye, Uphi na? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
9:5b.2SA.009.005 Wathumela ke ukumkani uDavide, wamthabatha endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
9:6b.2SA.009.006 Weza uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, kuDavide, wawa ngobuso, waqubuda. Wathi uDavide, Mefibhoshete. Wathi ke yena, Nanku lo mkhonzi wakho.
9:7b.2SA.009.007 Wathi uDavide kuye, Musa ukoyika; ngokuba ndiya kukwenzela inceba ngenene, ngenxa kaYonatan uyihlo, ndikubuyisele onke amasimi kaSawule uyihlo; wena udle isonka etafileni yam ngamaxesha onke.
9:8b.2SA.009.008 Waqubuda, wathi, Umkhonzi wakho uyintoni na, ukuba uyibheke inja efileyo, enjengam nje?
9:9b.2SA.009.009 Ukumkani wabiza uTsibha, umfana wakwaSawule, wathi kuye, Yonke into ebiyekaSawule, neyendlu yakhe yonke, ndiyinike unyana wenkosi yakho.
9:10b.2SA.009.010 Uze umlimele umhlaba, wena noonyana bakho, nabakhonzi bakho, umzisele abe nokudla unyana wenkosi yakho, adle; ke uMefibhoshete, unyana wenkosi yakho, uya kudla ngamaxesha onke etafileni yam. Ke kaloku uTsibha wayenoonyana abalishumi elinantlanu, nabakhonzi abamashumi mabini.
9:11b.2SA.009.011 Wathi uTsibha kukumkani, Ngokwento yonke emwisele umthetho ngayo umkhonzi wayo inkosi yam ukumkani, uyakwenjenjalo umkhonzi wakho. UMefibhoshete wadla etafileni yakhe, njengabanye oonyana bokumkani.
9:12b.2SA.009.012 UMefibhoshete ebenonyana omncinane, ogama belinguMika. Bonke ababehleli endlwini kaTsibha babengabakhonzi bakaMefibhoshete.
9:13b.2SA.009.013 UMefibhoshete ubehlala eYerusalem; ngokuba ubesidla etafileni yokumkani ngamaxesha onke. Ubefe iinyawo zakhe zombini.
10
10:1b.2SA.010.001 Kwathi emveni kokuba njalo, wafa ukumkani woonyana baka-Amon; wangukumkani uHanun, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.
10:2b.2SA.010.002 Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun, unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzelayo inceba. Wathumela uDavide ngesandla sabakhonzi bakhe ukumkhuza ngaye uyise. Beza ke abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon.
10:3b.2SA.010.003 Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun inkosi yabo, Ucinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? UDavide akabathumele na abakhonzi bakhe kuwe ukuze awugocagoce umzi, awuhlole, awubhukuqe?
10:4b.2SA.010.004 Wabathabatha ke uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya elinye icala leendevu zabo, wazicanda phakathi iingubo zabo ezinde, wada waya kuma ngemisekela, wabandulula ke.
10:5b.2SA.010.005 Waxelelwa uDavide; wathuma izigidimi zokubakhawulela; ngokuba amadoda lawo abehlaziswe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko, zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya.
10:6b.2SA.010.006 Babona oonyana baka-Amon ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke oonyana baka-Amon, baqesha kuma-Aram aseBhete-rehobhi, nakuma-Aram aseTsobha, amashumi amabini amawaka angumqikela; nakukumkani waseMahaka iwaka lamadoda; nakumadoda aseTobhi ishumi elinamabini lamawaka amadoda.
10:7b.2SA.010.007 Weva uDavide; wathuma uYowabhi enomkhosi wonke wamagorha.
10:8b.2SA.010.008 Baphuma oonyana baka-Amon, bakha izintlu zokulwa ekungeneni kwesango; ama-Aram aseTsobha, nawaseRehobhi, namadoda aseTobhi, nawaseMahaka aba wodwa endle.
10:9b.2SA.010.009 Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheke kuye, ngaphambili nangasemva, wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wakha uluhlu malunga nama-Aram.
10:10b.2SA.010.010 Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi, umninawa wakhe, wabakha baluluhlu malunga noonyana baka-Amon.
10:11b.2SA.010.011 Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wondisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakoyisa, ndoza kukusiza.
10:12b.2SA.010.012 Yomelela, somelele ngenxa yabantu bakowethu, nangenxa yemizi yoThixo wethu; uYehova enze oko kulungileyo emehlweni akhe.
10:13b.2SA.010.013 Weza uYowabhi nabantu ababenaye, walwa nama-Aram; asaba ebusweni bakhe.
10:14b.2SA.010.014 Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi, bangena ekhaya. Wabuya ke uYowabhi koonyana baka-Amon, weza eYerusalem.
10:15b.2SA.010.015 Abona ama-Aram ukuba agxothiwe phambi kwamaSirayeli, ahlanganisana ndawonye.
10:16b.2SA.010.016 Wathumela uHadadezere, wawarhola ama-Aram abephesheya koMlambo, eza eHelam; uShobhaki, umthetheli womkhosi kaHadadezere, ephambi kwawo.
10:17b.2SA.010.017 Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya eHelam. Akha izintlu ama-Aram malunga noDavide, alwa naye.
10:18b.2SA.010.018 Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli. UDavide wabulala kuma-Aram amakhulu asixhenxe abeenqwelo zokulwa, namashumi amane amawaka abamahashe. Waxabela noShobhaki, umthetheli womkhosi wawo, wafela khona.
10:19b.2SA.010.019 Bonke ookumkani abakhonza uHadadezere babona ukuba bagxothiwe phambi kwamaSirayeli, baxolelana namaSirayeli, bawakhonza. Oyika ke ama-Aram ukuba sabasiza oonyana baka-Amon.
11
11:1b.2SA.011.001 Kwathi ukuvela komnyaka, ngexesha lokuphuma kookumkani ukuya kulwa, uDavide wamthuma uYowabhi, nabakhonzi bakhe kunye naye, namaSirayeli onke, batshabalalisa oonyana baka-Amon, bayingqinga iRabha. UDavide wayehleli eYerusalem.
11:2b.2SA.011.002 Kwathi ngexesha langokuhlwa, wavuka uDavide esililini sakhe, wahambahamba phezu kophahla lwendlu yokumkani. Wathi, eseluphahleni, wabona umfazi ezihlamba; ke umfazi lowo wayemhle kunene ngembonakalo.
11:3b.2SA.011.003 Wathumela uDavide, wabuzisa ngaloo mfazi. Kwathiwa, Asinguye na uBhatshebha lowo, intombi kaEliham, umkaUriya umHeti?
11:4b.2SA.011.004 UDavide wathuma abathunywa, wamthabatha; weza ke yena kuye, walala naye. Akuba ezingcwalisile ebunqambini bakhe, wabuyela endlwini yakhe.
11:5b.2SA.011.005 Wamitha umfazi lowo; wathumela, waxelela uDavide, wathi, Ndimithi.
11:6b.2SA.011.006 UDavide wathumela kuYowabhi, esithi, Thumela kum apha u-Uriya umHeti. UYowabhi wamthumela u-Uriya kuDavide.
11:7b.2SA.011.007 Waya u-Uriya kuye. Wabuza uDavide ukuba unjani na uYowabhi, banjani na abantu, injani na imfazwe.
11:8b.2SA.011.008 UDavide wathi ku-Uriya, Yihla uye endlwini yakho, uhlambe iinyawo zakho. Waphuma u-Uriya endlwini yokumkani; kwaphuma emva kwakhe isipho sokumkani.
11:9b.2SA.011.009 U-Uriya walala emnyango wendlu yokumkani, nabakhonzi bonke benkosi yakhe; akehla aye endlwini yakhe.
11:10b.2SA.011.010 Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, U-Uriya akehlanga aye endlwini yakhe. Wathi uDavide ku-Uriya, Akuveli eluhambeni na? Yini na ukuba ungehli uye endlwini yakho?
11:11b.2SA.011.011 Wathi u-Uriya kuDavide, Ityeya namaSirayeli namaYuda ahleli eminqubeni, nenkosi yam uYowabhi nabakhonzi benkosi yam bahleli endle; mna ndiye endlwini yam, ndidle, ndisele, ndilale nomkam? Uhleli nje wena, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kuyenza loo nto.
11:12b.2SA.011.012 Wathi uDavide ku-Uriya, Hlala apha nanamhla, ndokundulula ngomso. Wahlala ke u-Uriya eYerusalem ngaloo mhla nangengomso.
11:13b.2SA.011.013 UDavide wammema: wadla, wasela phambi kwakhe; wamnxilisa. Waphuma ngokuhlwa, waya kulala esililini sakhe nabakhonzi benkosi yakhe; akehla aye endlwini yakhe.
11:14b.2SA.011.014 Kwathi kusasa, uDavide wabhala incwadi kuYowabhi, wayithumela ngesandla sikaUriya.
11:15b.2SA.011.015 Wabhala ke encwadini, wathi, Mbekeni u-Uriya kweyona ndawo ishushu, angasisichenge kuyo emfazweni, nibuye umva, ukuze abinzwe afe.
11:16b.2SA.011.016 Kwathi, ekuwungqingeni kukaYowabhi umzi lowo, wambeka u-Uriya kwindawo abesazi ukuba akuyo amadoda angamakroti.
11:17b.2SA.011.017 Aphuma amadoda aloo mzi, alwa noYowabhi; kwawa abantu kubakhonzi bakaDavide; wafa noUriya umHeti.
11:18b.2SA.011.018 Wathumela uYowabhi kuDavide, wamxelela zonke iindaba zemfazwe.
11:19b.2SA.011.019 Wamwisela umthetho umthunywa, esithi, Xa ugqibileyo ukuzenza zonke iindaba zemfazwe kukumkani, wothi,
11:20b.2SA.011.020 ukuba buthe benyuka ubushushu bokumkani, wathi kuwe, Ibiyini na ukuba nisondele kangaka kuloo mzi ngokulwa? beningazi na ukuba botola beseludongeni?
11:21b.2SA.011.021 wabethwa ngubani na uAbhimeleki unyana kaYerubheshete? akagityiselwanga na yinkazana ngelitye lokusila eludongeni, wafela eTebhetse? ibiyini na ukuba nisondele kangaka eludongeni? uthi wena, Nomkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye.
11:22b.2SA.011.022 Wahamba ke umthunywa, waya, wamxelela uDavide konke uYowabhi abemthume khona.
11:23b.2SA.011.023 Wathi umthunywa kuDavide, Athi akuseyisa thina amadoda, aphuma eza kuthi phandle; saba phezu kwawo ke, sada sesa ekungeneni kwesango;
11:24b.2SA.011.024 batola abatoli kubakhonzi bakho beseludongeni, kwafa inxenye kubakhonzi bokumkani; umkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye.
11:25b.2SA.011.025 Wathi uDavide kumthunywa lowo, Wotsho kuYowabhi ukuthi, Mayingabi mbi emehlweni akho le ndawo; ngokuba ikrele eli lidla kulo nakulowa. Komeleze ukulwa kwakho, nomzi lowo uwuchithe; uze umomeleze ke.
11:26b.2SA.011.026 Weva umkaUriya ukuba ufile u-Uriya indoda yakhe, wayimbambazelela indoda yakhe.
11:27b.2SA.011.027 Lakudlula ixesha lezila lakhe, wathumela uDavide, wamthabathela endlwini yakhe, waba ngumkakhe, wamzalela unyana. Ke loo nto wayenzayo uDavide yaba mbi emehlweni kaYehova.
12
12:1b.2SA.012.001 UYehova wathumela uNatan kuDavide. Waya kuye, wathi kuye, Kwakukho amadoda amabini mzini mnye: enye isisityebi, enye ilihlwempu.
12:2b.2SA.012.002 Esisityebi yayinempahla emfutshane neenkomo ezininzi kunene.
12:3b.2SA.012.003 Elihlwempu yayingenanto, kuphela yayinemva nazana encinane inye, ebiyizuzile, yayigcina; yakhulela kuyo nabantwana bayo ndaweni-nye, yadla eqhekezeni layo, yasela endebeni yayo, yalala esifubeni sayo, yanjengentombi yayo.
12:4b.2SA.012.004 Kwafika umhambi endodeni esisityebi eso, sanqena ukuthabatha empahleni yaso emfutshane nasezinkomeni zaso, ukulungiselela umhambi lowo ufikileyo kuso; sesuka sathabatha imvanazana yendoda elihlwempu, salungiselela umntu ofike kuso.
12:5b.2SA.012.005 Wavutha kunene umsindo kaDavide kwindoda leyo, wathi kuNatan, Ehleli nje uYehova, ngumfo wokufa loo ndoda yenze le nto.
12:6b.2SA.012.006 Iya kuyimisela ngesine imvanazana leyo, ngenxa enokuba yenze loo nto, nangenxa yokuba ingabanga nalufefe.
12:7b.2SA.012.007 Waza wathi uNatan kuDavide, Loo ndoda nguwe. Utsho uYehova uThixo kaSirayeli ukuthi, Mna ndakuthambisa ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli, mna ndakuhlangula esandleni sikaSawule,
12:8b.2SA.012.008 ndakunika indlu yenkosi yakho, nabafazi benkosi yakho esifubeni sakho, ndakunika indlu yakwaSirayeli neyakwaYuda; ke, ukuba bekukuncinane oko, ngendikongezile ndenjenje, ndenjenje.
12:9b.2SA.012.009 Yini na ukuba ulidele ilizwi likaYehova, wenze ububi emehlweni akhe, umbulale u-Uriya umHeti ngekrele, nomkakhe umzeke abe ngumkakho, umbulale ngekrele loonyana baka-Amon?
12:10b.2SA.012.010 Ke ngoko, ikrele aliyi kumka endlwini yakho naphakade; ngenxa enokuba undidelile, wamzeka umkaUriya umHeti, wangumkakho.
12:11b.2SA.012.011 Utsho uYehova ukuthi, Ndikuvelisela ububi obuya kuphuma endlwini yakho: ndibathabathe abafazi bakho emehlweni akho, ndibanike ummelwane wakho, alale nabafazi bakho phambi kwelanga eli.
12:12b.2SA.012.012 Ekubeni wena ukwenze oku ngasese, ke mna ndiya kuyenza le nto phambi kwamaSirayeli onke, naphambi kwelanga eli.
12:13b.2SA.012.013 Wathi uDavide kuNatan, Ndonile kuYehova. Wathi uNatan kuDavide, Naye uYehova usikhwelelisile isono sakho, akuyi kufa.
12:14b.2SA.012.014 Kodwa ke, ngenxa yokuba uzinike ithuba lokunyelisa iintshaba zikaYehova ngale nto, ke unyana omzalelweyo ngulo mfazi uya kufa ngenene.
12:15b.2SA.012.015 Waya uNatan endlwini yakhe. UYehova wamhlisela isifo umntwana abemzalelwe uDavide ngumkaUriya; wagula kakhulu.
12:16b.2SA.012.016 UDavide wambongoza uThixo ngenxa yenkwenkwe leyo; uDavide wazila ukudla, waqungquluza emhlabeni bonke ubusuku.
12:17b.2SA.012.017 Asuka ema amadoda amakhulu endlu yakhe, emvusa emhlabeni; akavuma, akadla sonka nawo.
12:18b.2SA.012.018 Kwathi ngomhla wesixhenxe, wafa umntwana. Boyika abakhonzi bakaDavide ukumxelela ukuba umntwana ufile; ngokuba babesithi, Yabonani, oko umntwana ebesahleli, sathetha naye, akaliphulaphula ilizwi lethu; sothini na ukuthi kuye, Ufile umntwana, aze enze into embi?
12:19b.2SA.012.019 Wabona uDavide ukuba abakhonzi bakhe bayasebezelana, waqonda uDavide ukuba ufile umntwana; wathi uDavide kubakhonzi bakhe, Ufile na umntwana? Bathi, Ufile.
12:20b.2SA.012.020 Wesuka uDavide emhlabeni, wazihlamba, wazithambisa, wanxiba ngubo zimbi, waya endlwini kaYehova, waqubuda; weza endlwini yakhe, wabiza ukudla; babeka phambi kwakhe, wadla.
12:21b.2SA.012.021 Bathi abakhonzi bakhe kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo? Oko ebesahleli umntwana, wazila ukudla, walila; akuba efile umntwana, uvukile wadla ukudla.
12:22b.2SA.012.022 Wathi yena, Xa ebesahleli umntwana, ndazila ukudla, ndalila; ngokuba bendisithi, Ngubani na owaziyo? Mhlawumbi uYehova angandibabala, aphile umntwana.
12:23b.2SA.012.023 Efile nje kaloku, yini na ukuba ndibe ndisazila ukudla? Ndisenako yini na ukumbuyisa? Ndiya kuya kuye mna, yena akayi kubuyela kum.
12:24b.2SA.012.024 UDavide wamthuthuzela uBhatshebha umkakhe; wangena kuye, walala naye; wazala unyana, wathi igama lakhe nguSolomon.
12:25b.2SA.012.025 Ke uYehova wamthanda; wathumela ngesandla sikaNatan umprofeti, wathi, Igama lakhe nguYedidiya, ngenxa kaYehova.
12:26b.2SA.012.026 Ke kaloku uYowabhi walwa neRabha yoonyana baka-Amon, wawuthimba umzi wakomkhulu lowo.
12:27b.2SA.012.027 UYowabhi wathuma abathunywa kuDavide, esithi, Ndilwile neRabha, kananjalo ndiwuthimbile umzi wamanzi.
12:28b.2SA.012.028 Hlanganisa ngoko abantu abaseleyo, uwurhawule umzi, uwuthimbe; hleze mna ndiwuthimbe lo mzi, ubizwe ngam.
12:29b.2SA.012.029 Wabahlanganisa uDavide bonke abantu, waya eRabha, walwa nayo, wayithimba.
12:30b.2SA.012.030 Wasithabatha isithsaba sokumkani wabo entlokweni yakhe; ubunzima baso bebuyitalente yegolide, sinamatye anqabileyo; saba sentlokweni kaDavide. Waphuma namaxhoba aloo mzi, aba maninzi kunene.
12:31b.2SA.012.031 Ke abantu ababekhona wabarhola, wabathumela ezisarheni, nasezisizilweni zesinyithi, nasezierheni zesinyithi, wabasebenzisa emazikweni ezitena. Wenjenjalo kwimizi yonke yoonyana baka-Amon. Wabuyela eYerusalem uDavide nabantu bonke.
13
13:1b.2SA.013.001 Kwathi emveni koko, uAbhisalom unyana kaDavide enodade wabo oyinzwakazi, ogama belinguTamare, wesuka uAmnon unyana kaDavide wamthanda.
13:2b.2SA.013.002 Wabandezeleka uAmnon, ngokokude azihlisele isifo ngenxa kaTamare, udade wabo; ngokuba ebeyintombi; kwanqaba emehlweni ka-Amnon ukuba amenze into.
13:3b.2SA.013.003 Ke kaloku uAmnon ebenomhlobo, ogama belinguYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide. UYonadabhi ebeyindoda elumke kunene.
13:4b.2SA.013.004 Wathi kuye, Yini na ukuba ube nje ukubhitya imiso ngemiso, nyana wokumkani? Akundixeleli na? Wathi uAmnon kuye, Ndithanda uTamare, udade boAbhisalom umninawa wam.
13:5b.2SA.013.005 UYonadabhi wathi kuye, Lala esililini sakho, uzigulise; ke wothi, akuza kukubona uyihlo, uthi kuye, Makhe eze uTamare udade wethu, andinike into edliwayo, ayenze phambi kwam, ukuze ndiyibone, ndiyidle esandleni sakhe.
13:6b.2SA.013.006 Walala ke uAmnon, wazigulisa. Ukumkani waya kumbona. Wathi uAmnon kukumkani, Makhe eze uTamare udade wethu, enze phambi kwam izonkana eziyolisa intliziyo, zibe zibini, ndizidle esandleni sakhe.
13:7b.2SA.013.007 Wathumela uDavide kuTamare endlwini, esithi, Khawuye endlwini ka-Amnon umnakwenu, umenzele ukudla.
13:8b.2SA.013.008 Waya uTamare endlwini ka-Amnon umnakwabo, yena elele phantsi. Wathabatha intlama, waxovula, wenza izonkana eziyolisa intliziyo phambi kwakhe, wazosa izonkana eziyolisa intliziyo.
13:9b.2SA.013.009 Wathabatha ipani, wazikhuphela phambi kwakhe; akavuma ukudla. Wathi uAmnon, Mabakhutshwe abantu bonke, baphume kum. Baphuma bonke abantu kuye.
13:10b.2SA.013.010 Wathi uAmnon kuTamare, Kuzise ekhusini apha ukudla, ndidle esandleni sakho. Wazithabatha uTamare izonkana eziyolisa intliziyo abezenzile, wazisa ekhusini kuAmnon umnakwabo.
13:11b.2SA.013.011 Wazisondeza kuye ukuba adle. Wesuka yena, wambamba, wathi kuye, Yiza, ulale nam, dade wethu.
13:12b.2SA.013.012 Wathi kuye, Musa, mnakwethu, musa ukundidlwengula; ngokuba akwenjiwa nje kwaSirayeli; musa ukulenza eli nyala.
13:13b.2SA.013.013 Mna ndingaya phi na nehlazo lam? Ke wena ungaba njengowabanobudenge kwaSirayeli. Khawuthethe ke ngoko nokumkani; ngokuba akangemangali nam kuwe.
13:14b.2SA.013.014 Akavuma yena ukuliphulaphula ilizwi lakhe. Wameyisa, wamdlwengula, walala naye.
13:15b.2SA.013.015 Waza uAmnon wamthiya ngentiyo enkulu kunene; ngokuba yaba nkulu intiyo awamthiya ngayo, ngaphezu kwentando abemthande ngayo. Wathi uAmnon kuye, Suka umke.
13:16b.2SA.013.016 Wathi kuye, Musa ukuba yimbangi yobu bubi bokundigxotha; bukhulu ngaphezu kobuya ubenzileyo kum. Akavuma ukumphulaphula.
13:17b.2SA.013.017 Wabiza umfana, umlungiseleli wakhe, wathi, Khawugxothe le nkazana, imke kum, iye phandle, utshixe ucango emva kwayo.
13:18b.2SA.013.018 Ke yayambethe ingubo ende enemikhono; ngokuba bezisenjenjalo iintombi zokumkani eziseziintombi, ukwambatha ingubo yokwaleka. Wayikhuphela ngaphandle ke umlungiseleli wakhe, walutshixa ucango emva kwayo.
13:19b.2SA.013.019 UTamare wazigalela uthuthu entloko, wayikrazula ingubo yakhe ende enemikhono abeyambethe, wabeka isandla entloko, wemka, ehamba ekhala.
13:20b.2SA.013.020 Wathi uAbhisalom umnakwabo kuye, Ubenawe na uAmnon umnakwenu? Kaloku, dade wethu, hlala uthi tu, ngumnakwenu. Musa ukuyibekela ntliziyo le nto. Wahlala ke uTamare, wasisishwayimbana endlwini ka-Abhisalom umnakwabo.
13:21b.2SA.013.021 Waziva ukumkani uDavide zonke ezo nto, wavutha ngumsindo kunene.
13:22b.2SA.013.022 Akathetha nelibi nelilungileyo uAbhisalom kuAmnon; ngokuba uAbhisalom wamthiya uAmnon, ngale nto yokuba emdlwengule uTamare udade wabo.
13:23b.2SA.013.023 Kwathi, emva kweminyaka emibini, kwabakho abachebi kuAbhisalom eBhahali-hatsore kwaEfrayim. UAbhisalom wamema bonke oonyana bokumkani.
13:24b.2SA.013.024 Weza uAbhisalom, wathi kukumkani, Uyabona, naba abachebi kumkhonzi wakho; ukumkani nabakhonzi bakhe mabahambe nomkhonzi wakho.
13:25b.2SA.013.025 Ukumkani wathi kuAbhisalom, Musa, nyana wam; masingayi sonke sibe ngumthwalo kuwe. Wamzama; akavuma ukuya, kodwa wamsikelela.
13:26b.2SA.013.026 Wathi uAbhisalom, Ukuba akuyi wena, makakhe ahambe nathi uAmnon, umkhuluwa wam. Wathi ukumkani kuye, Ahambeleni na nawe?
13:27b.2SA.013.027 UAbhisalom wamzama; wavuma ukuba uAmnon ahambe naye, noonyana bonke bokumkani.
13:28b.2SA.013.028 UAbhisalom wawawisela umthetho amadodana akwakhe, wathi, Khanikhangele, xa ithe intliziyo ka-Amnon yamnandi yiwayini, ndaza ndathi kuni, Mbetheni uAmnon, nombulala. Musani ukoyika; aniwiselwe ndim na umthetho? Yomelelani nibe ngamakroti.
13:29b.2SA.013.029 Enza ke amadodana ka-Abhisalom kuAmnon njengoko uAbhisalom abewawisele umthetho. Besuka ke bonke oonyana bokumkani; walowo wakhwela kundlebende wakhe, basaba.
13:30b.2SA.013.030 Kwathi, besesendleleni, zafika iindaba kuDavide, zisithi, UAbhisalom ubabulele bonke oonyana bokumkani, akwasala namnye.
13:31b.2SA.013.031 Wesuka ukumkani, wazikrazula iingubo zakhe, waqungquluza emhlabeni; bonke abakhonzi bakhe bemi ngakuye, bezikrazule iingubo zabo.
13:32b.2SA.013.032 Waphendula uYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide, wathi, Mayingathi inkosi yam abulewe onke amadodana angoonyana bokumkani; ngokuba kufe uAmnon yedwa; ngokuba yagqitywa le nto ngumlomo ka-Abhisalom, kususela kwalaa mini wamdlwengula ngayo uTamare, udade wabo.
13:33b.2SA.013.033 Ke ngoko, nkosi yam kumkani, ungalibekeli ntliziyo eli lizwi lithi, bonke oonyana bokumkani bafile. Akunjalo; nguAmnon yedwa ofileyo.
13:34b.2SA.013.034 Wabaleka uAbhisalom. Ke kaloku umfana ongumlindi waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza into eninzi yabantu, ngendlela esecaleni lentaba, bevela ngasentshonalanga.
13:35b.2SA.013.035 Wathi uYonadabhi kukumkani, Naba oonyana bokumkani besiza; njengoko belinjalo ilizwi lomkhonzi wakho, kwenzeke ngokunjalo.
13:36b.2SA.013.036 Kwathi, akugqiba ukuthetha, babonakala befika oonyana bokumkani, baliphakamisa ilizwi labo, balila; kananjalo ukumkani nabakhonzi bakhe bonke batsho isililo esikhulu kunene.
13:37b.2SA.013.037 Ke uAbhisalom wabalekela kuTalemayi, unyana ka-Amihudi, ukumkani waseGeshuri. UDavide wenza isijwili ngonyana wakhe yonke imihla.
13:38b.2SA.013.038 Wabaleka ke uAbhisalom wafika eGeshuri, waba minyaka mithathu khona.
13:39b.2SA.013.039 UDavide ukumkani walangazelela ukuphuma aye kuAbhisalom, kuba wayeselethuthuzelekile ngoAmnon kuba efile.
14
14:1b.2SA.014.001 Wazi uYowabhi unyana kaTseruya, ukuba intliziyo yokumkani ibheke kuAbhisalom,
14:2b.2SA.014.002 uYowabhi wathumela ke eTekowa, wathabatha khona inkazana elumkileyo, wathi kuyo, Khawuzenze ozilileyo, khawunxibe iingubo zokuzila, ungazithambisi ngeoli; yiba njengenkazana le imenzela ofileyo izila imihla emininzi;
14:3b.2SA.014.003 uye kukumkani, uthethe kuye wenjenje. UYowabhi wafaka amazwi emlonyeni wayo.
14:4b.2SA.014.004 Yathetha inkazana yaseTekowa kukumkani, yawa ngobuso emhlabeni, yaqubuda, yathi, Sindisa, kumkani.
14:5b.2SA.014.005 Ukumkani wathi kuyo, Unandawoni na? Yathi, Hayi, ndingumhlolokazi; indoda yam ifile.
14:6b.2SA.014.006 Umkhonzazana wakho ebenoonyana ababini; balwa bobabini endle, akwabakho mhlanguli phakathi kwabo: omnye watsho komnye, wambulala.
14:7b.2SA.014.007 Ke kaloku, nanku, wonke umzalwane usukele phezulu komkhonzazana wakho, usithi, Sinike umbulali womzalwana wakhe, simbulale, ngenxa yomphefumlo womzalwana wakhe ambuleleyo, sitshabalalise nendlamafa; ukuze bacime ilahle lam eliseleyo, bangayisaliseli indoda yam igama nempunde emhlabeni.
14:8b.2SA.014.008 Wathi ukumkani kwinkazana leyo, Yiya endlwini yakho, mna ndiya kuwuwisa umthetho ngenxa yakho.
14:9b.2SA.014.009 Inkazana yaseTekowa yathi kukumkani, Nkosi yam, kumkani, mabube phezu kwam, naphezu kwendlu kabawo, obo bugwenxa; makabe msulwa yena ukumkani netrone yakhe.
14:10b.2SA.014.010 Wathi ukumkani, Othetha into kuwe, mzise kum; akasayi kuphinda akuchukumise.
14:11b.2SA.014.011 Yathi, Ukumkani makhe amkhumbule uYehova uThixo wakhe, ukuze umphindezeli wegazi angakwandisi ukonakalisa, bangamtshabalalisi unyana wam. Wathi ke yena, Ehleli nje uYehova, akuyi kuwa nalunye unwele lonyana wakho emhlabeni.
14:12b.2SA.014.012 Yathi inkazana, Makhe athethe ilizwi umkhonzazana wakho enkosini yam ukumkani. Wathi yena, Thetha.
14:13b.2SA.014.013 Yathi inkazana leyo, Yini na ke ukuba ucinge into enjalo ngabantu bakaThixo? Ngokulithetha eli lizwi, ukumkani unjengonetyala, engambuyisi nje ukumkani umgxothwa wakhe.
14:14b.2SA.014.014 Ngokuba simelwe kukufa, sinjengamanzi aphaleleyo emhlabeni, angenakuhlanganiswa; noThixo akasusi mphefumlo, ufuna icebo, ukuze angamgxothi kuye umgxothwa.
14:15b.2SA.014.015 Le nto ndize kulithetha kukumkani inkosi yam eli lizwi ndenze kuba abantu aba bendoyikisile; wathi ke umkhonzazana wakho, Makhe ndithethe kukumkani, mhlawumbi ukumkani angalenza ilizwi lomkhonzazana wakhe.
14:16b.2SA.014.016 Ngokuba wova ukumkani, amhlangule umkhonzazana wakhe esandleni sale ndoda iza kunditshabalalisa mna, kunye nonyana wam elifeni likaThixo.
14:17b.2SA.014.017 Wathi ke umkhonzazana wakho, Ilizwi lenkosi yam ukumkani malibe lelokuphumza; ngokuba njengoko sinjalo isithunywa sikaThixo, injalo inkosi yam ukumkani, ukuva okulungileyo nokubi; uYehova uThixo wakho makabe nawe.
14:18b.2SA.014.018 Waphendula ke ukumkani, wathi kwinkazana, Musa ukukha uyikhanyele kum into endikubuzayo. Yathi inkazana, Mayikhe ithethe inkosi yam ukumkani.
14:19b.2SA.014.019 Wathi ke ukumkani, Isandla sikaYowabhi asinawe na kule nto yonke? Yaphendula inkazana, yathi, Uhleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam kumkani, inene, akukho nto ingasekunene nengasekhohlo kuko konke ekuthethayo inkosi yam ukumkani; ngokuba uYowabhi umkhonzi wakho, nguye lo undiwisele umthetho, nguye lo uwabekileyo emlonyeni womkhonzazana wakho onke la mazwi.
14:20b.2SA.014.020 Wenze le nto umkhonzi wakho uYowabhi, ukuze buguqulwe ubuso bale nto. Ke inkosi yam ilumke ngokulumka kwesithunywa sikaThixo, ukuba yazi konke okusemhlabeni.
14:21b.2SA.014.021 Wathi ukumkani kuYowabhi, Uyabona, ndiyenzile ke loo nto; hamba uye, umbuyise umfana lowo uAbhisalom.
14:22b.2SA.014.022 Wawa ke uYowabhi ngobuso emhlabeni, waqubuda, wabulela kukumkani, wathi, Namhla wazile umkhonzi wakho, ukuba ubabalwe nguwe, nkosi yam kumkani, esenzile nje ukumkani isicelo somkhonzi wakhe.
14:23b.2SA.014.023 Wesuka ke uYowabhi, waya eGeshuri, wamzisa uAbhisalom eYerusalem.
14:24b.2SA.014.024 Wathi ukumkani, Makajike aye endlwini yakhe, angabuboni ubuso bam. Wajika uAbhisalom, waya endlwini yakhe; akabubona ubuso bokumkani.
14:25b.2SA.014.025 Ke kumaSirayeli onke bekungekho ndoda injengoAbhisalom ukuba yinzwana, ngokokuze adunyiswe kunene; kwathabathela entendeni yonyawo kwesa elukakayini phezulu, kungekho siphako kuye.
14:26b.2SA.014.026 Ubesithi akuyicheba intloko yakhe (kuba bekusithi ekupheleni komnyaka iminyaka yonke ayichebe, ngokuba ibinzima phezu kwakhe, ayichebe ke), azilinganise iinwele zentloko yakhe, zisuke zibe ziishekele ezimakhulu mabini, ngokwelitye lokumkani.
14:27b.2SA.014.027 UAbhisalom wazalelwa oonyana abathathu, nentombi yanye; igama layo belinguTamare; ibiyinzwakazi ukubonakala kwayo.
14:28b.2SA.014.028 UAbhisalom wahlala eYerusalem iminyaka emibini; akabubona ubuso bokumkani.
14:29b.2SA.014.029 UAbhisalom wathumela kuYowabhi, ukuba amthumele kukumkani; akavuma ukuza kuye. Wabuya wathumela okwesibini; akavuma ukuza.
14:30b.2SA.014.030 Wathi kubakhonzi bakhe, Khangelani intsimi kaYowabhi, ingakweyam; unerhasi khona; yiyani, niyitshise ngomlilo. Bayitshisa ke abakhonzi baka-Abhisalom intsimi ngomlilo.
14:31b.2SA.014.031 Wesuka uYowabhi, waya kuAbhisalom, wathi kuye, Yini na ukuba abakhonzi bakho bayitshise ngomlilo intsimi yam?
14:32b.2SA.014.032 Wathi uAbhisalom kuYowabhi, Yabona, ndithumele kuwe, ndisithi, Yiza apha, ndikuthumele kukumkani, uye kuthi, Ndibuyiselweni na eGeshuri? Bekundilungele kanye ukuba ndibe ndisekhona. Kaloku mandibubone ubuso bokumkani; ukuba ndinetyala, makaselendibulala.
14:33b.2SA.014.033 Waya ke uYowabhi kukumkani, wamxelela. Wambiza uAbhisalom; waya kukumkani, waqubuda kuye ngobuso emhlabeni phambi kokumkani; ukumkani wamanga ke uAbhisalom.
15
15:1b.2SA.015.001 Kwathi emveni koko, uAbhisalom wazilungisela iinqwelo zokulwa, namahashe, namadoda angamashumi amahlanu ukuba abe zizigidimi phambi kwakhe.
15:2b.2SA.015.002 UAbhisalom wavuka kusasa, wema ngasecaleni lendlela yesango. Ubesakuthi, bonke abantu abanembambano yokuba kuyiwe kukumkani ngayo, ukuba ayigwebe, ababizele kuye uAbhisalom, abuze athi, Ungowawuphi na umzi? athi umntu lowo, Ungowezizwe zakwaSirayeli umkhonzi wakho.
15:3b.2SA.015.003 Ubesakuthi ke uAbhisalom kuye, Yabona, iindawo zakho ezi zilungile, zithe tse; koko akunamntu wokuzithetha kukumkani;
15:4b.2SA.015.004 athi uAbhisalom, Andaba bendimisiwe ndaba ngumgwebi ezweni apha, beze kum bonke abantu abanendawo ekubanjwene ngayo; ngendibalungisa!
15:5b.2SA.015.005 Ubesithi, akusondela umntu eza kuqubuda kuye, asuke amnike isandla sakhe, ambambe, amange.
15:6b.2SA.015.006 Wenza ke uAbhisalom ngendawo enjalo kumaSirayeli onke, abesiza kukumkani ekugwebeni. Waziba uAbhisalom iintliziyo zamadoda akwaSirayeli.
15:7b.2SA.015.007 Kwathi, ekupheleni kweminyaka emashumi mane, wathi uAbhisalom kukumkani, Makhe ndiye ndisizalise isibhambathiso, endabhambathisa ngaso kuYehova eHebron;
15:8b.2SA.015.008 ngokuba umkhonzi wakho wabhambathisa ngesibhambathiso ekuhlaleni kwakhe eGeshuri kwa-Aram, esithi, Ukuba uYehova uthe wandibuyisela ngenene eYerusalem, ndomkhonza uYehova.
15:9b.2SA.015.009 Wathi ukumkani kuye, Hamba uxolile. Wesuka ke, waya eHebron.
15:10b.2SA.015.010 UAbhisalom wathumela iintlola ezizweni zonke zakwaSirayeli, esithi, Nakuliva izwi lesigodlo, yithini, UAbhisalom ungukumkani eHebron.
15:11b.2SA.015.011 Kwaphuma eYerusalem, kwahamba noAbhisalom, amakhulu amabini amadoda amenyiweyo; ayehamba eyeke umzimba, engazi nto.
15:12b.2SA.015.012 UAbhisalom wathumela, wabiza uAhitofele waseGilo, umphakathi kaDavide, emzini wakhe eGilo, ebingelela imibingelelo. Laba namandla elo yelenqe; kuba abantu baya besanda kuAbhisalom.
15:13b.2SA.015.013 Kwafika umntu, wamxelela uDavide, esithi, Iintliziyo zamadoda akwaSirayeli zilandele uAbhisalom.
15:14b.2SA.015.014 Wathi uDavide kubakhonzi bakhe bonke abenabo eYerusalem, Sukani sibaleke; ngokuba asiyi kuba nakusinda ebusweni buka-Abhisalom. Khawulezani simke, hleze akhawuleze, asifikele, asihlisele ububi, awuxabele umzi ngohlangothi lwekrele.
15:15b.2SA.015.015 Bathi abakhonzi bokumkani kukumkani, Entweni yonke, eya kuyinyula inkosi yethu ukumkani, naba bekho abakhonzi bakho.
15:16b.2SA.015.016 Waphuma ukumkani, indlu yakhe yonke imlandela. Ukumkani washiya ishumi lamashweshwe, ukuze ayigcine indlu.
15:17b.2SA.015.017 Waphuma ke ukumkani, bemlandela abantu bonke; bema eBhete-meraki;
15:18b.2SA.015.018 bonke abakhonzi bakhe behamba ecaleni lakhe, nabancinithi bonke, nezigidimi zonke, nabaseGati bonke: amakhulu amathandathu amadoda, awaye emlandela evela eGati, agqitha phambi kokumkani.
15:19b.2SA.015.019 Wathi ukumkani kuItayi waseGati, Yini na ukuba nawe uhambe nathi? Buya, uhlale nokumkani; ngokuba ungowasemzini, ungumfiki, buyela endaweni yakho;
15:20b.2SA.015.020 ungathi, ufike izolo eli, ndikubhadulise nanamhla, ndikuhambise nathi na, ndisiya apho ndingaya khona nje? Buya, ubuyise abazalwana bakho; inceba nenyaniso ibe nawe.
15:21b.2SA.015.021 UItayi wamphendula ukumkani, wathi, Ehleli nje uYehova, ihleli nje inkosi yam ukumkani, inene, endaweni eya kuba kuyo inkosi yam ukumkani, nokuba kusekufeni, nokuba kusebomini, uya kuba lapho umkhonzi wakho.
15:22b.2SA.015.022 Wathi uDavide kuItayi, Hamba ugqithe ke. Wagqitha uItayi namadoda akhe onke, nosapho lonke abenalo.
15:23b.2SA.015.023 Lonke ilizwe laye lilila ngezwi elikhulu, bewela abantu bonke; ewela nokumkani emlanjaneni oyiKidron; abantu bonke bewela bekhangelene nendlela yentlango.
15:24b.2SA.015.024 Nanko, uTsadoki nabaLevi bonke benaye, bethwele ityeya yomnqophiso kaThixo, bayibeka phantsi ityeya kaThixo. Wenyuka uAbhiyatare, bada bagqibelela bonke abantu ukuwela, bephuma kuwo umzi.
15:25b.2SA.015.025 Wathi ukumkani kuTsadoki, Yibuyisele kuwo umzi ityeya kaThixo. Ukuba ndithe ndababalwa nguYehova, wondibuyisa, andibonise yona kwanekhaya lakhe.
15:26b.2SA.015.026 Ukuba uthe, Andikunanzile; nanku ndikho, makenze kum ngoko kulungileyo emehlweni akhe.
15:27b.2SA.015.027 Wathi ukumkani kuTsadoki umbingeleli, Wena mboni, buyela kuwo umzi unoxolo, noAhimahatse unyana wakho, noYonatan unyana ka-Abhiyatare, oonyana benu bobabini kunye nawe.
15:28b.2SA.015.028 Yabonani, ndozilazila emazibukweni entlango, kude kufike ilizwi elivela kuni lokundixelela.
15:29b.2SA.015.029 UTsadoki noAbhiyatare bayibuyisela ityeya kaThixo eYerusalem, bahlala khona.
15:30b.2SA.015.030 UDavide wenyuka eqhineni leminquma, enyuka elila, egqubuthele intloko, ehamba engenazimbadada ezinyaweni zakhe; bonke abantu abenabo begqubuthele elowo intloko yakhe; benyuka, benyuka belila.
15:31b.2SA.015.031 Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, UAhitofele ukubacebisi baka-Abhisalom. Wathi uDavide, Yehova, khawulitshitshise icebo lika-Ahitofele.
15:32b.2SA.015.032 Kwathi, akuya kufika uDavide encotsheni, apho bekusakuqutyudwa khona kuThixo, nanko uHushayi umArki emkhawulela, ekrazule ingubo yakhe, enomhlaba entloko.
15:33b.2SA.015.033 UDavide wathi kuye, Ukuba uthe wagqithela nam, woba ngumthwalo kum;
15:34b.2SA.015.034 ke ukuba uthe wabuyela kuwo umzi, wathi kuAbhisalom, Ndoba ngumkhonzi wakho, kumkani; ndibe ndifudula ndingumkhonzi kayihlo, ngoko ndingumkhonzi wakho: wonditshitshisela ke icebo lika-Ahitofele.
15:35b.2SA.015.035 Abanawe na apho uTsadoki noAbhiyatare ababingeleli? Kothi ke, yonke into othe wayiva endlwini yokumkani, uyixele kuTsadoki noAbhiyatare ababingeleli.
15:36b.2SA.015.036 Yabona, bakho khona nabo oonyana babo bobabini, uAhimahatse okaTsadoki, noYonatan oka-Abhiyatare; nolithumela ngesandla sabo kum lonke ilizwi enithe naliva.
15:37b.2SA.015.037 Waya ke uHushayi, umhlobo kaDavide, kuwo umzi; uAbhisalom weza eYerusalem.
16
16:1b.2SA.016.001 UDavide egqithile kancinane encotsheni yenduli, nanko uTsibha, umfana wakwaMefibhoshete, emkha wulela, enamaesile amabini ebotshiwe, ebekwe izonka ezimakhulu mabini, nekhulu lezicumba zeerasintyisi, nekhulu leziqhamo zasehlotyeni, nentsuba yewayini.
16:2b.2SA.016.002 Wathi ukumkani kuTsibha, Uthini na ngezi zinto? Wathi uTsibha, Amaesile ngawokukhwela abendlu yokumkani, izonka neziqhamo zasehlotyeni zezokudliwa ngamadodana; iwayini yeyokuba basele abatyhafileyo entlango.
16:3b.2SA.016.003 Wathi ukumkani, Uphi na unyana wenkosi yakho? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya, ehleli eYerusalem; ngokuba uthi, Namhla indlu yakwaSirayeli iya kububuyisela kum ubukumkani bukabawo.
16:4b.2SA.016.004 Wathi ukumkani kuTsibha, Nanko, kukokwakho konke okukaMefibhoshete. Wathi uTsibha, Ndiyaqubuda; mandibabalwe nguwe, nkosi yam kumkani.
16:5b.2SA.016.005 Wafika ukumkani uDavide eBhahurim, nanko, kuphuma khona indoda yomzalwane wendlu kaSawule, egama linguShimehi, unyana kaGera; yaphuma yahamba itshabhisa.
16:6b.2SA.016.006 Yamxuluba ngamatye uDavide, nabakhonzi bonke bokumkani uDavide; bonke abantu namagorha onke babengasekunene nangasekhohlo kuye.
16:7b.2SA.016.007 Wathi uShimehi ukutshabhisa kwakhe, Phuma, phuma, mfondini wamagazi, mfondini ulitshijolo;
16:8b.2SA.016.008 uYehova uwabuyisele phezu kwakho onke amagazi endlu kaSawule, othe wena wangukumkani esikhundleni sakhe; uYehova ubunikele ubukumkani esandleni sika-Abhisalom, unyana wakho. Yabona, weyele ebubini bakho, ngokuba ungumfo wamagazi.
16:9b.2SA.016.009 Wathi ke uAbhishayi unyana kaTseruya kukumkani, Kungani na ukuba le nja ifileyo iyitshabhise inkosi yam ukumkani? Makhe ndiwele, ndiyinqumle intloko.
16:10b.2SA.016.010 Wathi ukumkani, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya? Myeke atshabhise; xa uYehova athe kuye, Mtshabhise uDavide, ngubani na oya kuthi, Yini na ukuba wenjenjalo?
16:11b.2SA.016.011 Wathi uDavide kuAbhishayi nakubakhonzi bakhe bonke, Niyabona, unyana wam ophume ezibilinini zam ungxamele umphefumlo wam; angabeka phi na ke ngoku lo mBhenjamin? Myekeni atshabhise; ngokuba utshilo kuye uYehova.
16:12b.2SA.016.012 Mhlawumbi uYehova angabukhangela ubugwenxa bam, uYehova andibuyisele okulungileyo, esikhundleni sokutshabhiswa kwam namhla.
16:13b.2SA.016.013 UDavide wahamba ngendlela namadoda akhe; uShimehi ehamba ecaleni lentaba elilunge naye, engaphesheya; wahamba etshabhisa, wamxuluba ngamatye emalunga naye, emphosa nothuli.
16:14b.2SA.016.014 Ukumkani nabantu bonke abanaye beza eAyefim, bakha baphefumla khona.
16:15b.2SA.016.015 Ke kaloku uAbhisalom nabantu bonke, amadoda akwaSirayeli, beza eYerusalem, benoAhitofele.
16:16b.2SA.016.016 Kwathi, akufika uHushayi waseArki, umhlobo kaDavide, kuAbhisalom, wathi uHushayi kuAbhisalom, Makadle ubomi ukumkani, makadle ubomi ukumkani.
16:17b.2SA.016.017 Wathi uAbhisalom kuHushayi, Yinceba yakho na le kumhlobo wakho? Yini na ukuba ungabambi nomhlobo wakho?
16:18b.2SA.016.018 Wathi uHushayi kuAbhisalom, Hayi, onyulwe nguYehova nangaba bantu, nangamadoda onke akwaSirayeli, ndoba ngowakhe mna, ndihlale naye mna.
16:19b.2SA.016.019 Kananjalo ndibe ndifanele ukukhonza bani na? Bendingafanele kukhonza phambi konyana wakhe na? Njengoko ndakhonzayo phambi koyihlo, ndiya kwenjenjalo phambi kwakho.
16:20b.2SA.016.020 Wathi uAbhisalom kuAhitofele, Khanenze icebo, ukuba siya kwenza ntoni na.
16:21b.2SA.016.021 Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Ngena kumashweshwe kayihlo, awashiyileyo ukuba agcine indlu, eve onke amaSirayeli ukuba uzinukisile kuyihlo, zomelele izandla zabo bonke abanawe.
16:22b.2SA.016.022 Bamtwabululela uAbhisalom intente phezu kwendlu; wangena uAbhisalom kumashweshwe kayise emehlweni amaSirayeli onke.
16:23b.2SA.016.023 Ke kaloku icebo lika-Ahitofele, abecebisa ngalo ngaloo mihla, belinjengelobuze kwilizwi likaThixo; belinjalo lonke icebo lika-Ahitofele kuDavide nakuAbhisalom.
17
17:1b.2SA.017.001 Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Makhe ndinyule ishumi lamawaka elinamawaka amabini amadoda, ndisuke, ndimsukele uDavide ngobu busuku;
17:2b.2SA.017.002 ndimfikele ediniwe, ewe izandla, ndimothuse; basabe bonke abantu anabo; ndibulale ukumkani yedwa;
17:3b.2SA.017.003 ndibabuyisele kuwe bonke abantu; indoda leyo ufuna yona injengokungathi babuye bonke; boxola bonke abantu.
17:4b.2SA.017.004 Lalunga elo zwi emehlweni ka-Abhisalom, nasemehlweni amadoda amakhulu onke akwaSirayeli.
17:5b.2SA.017.005 Wathi uAbhisalom, Khawubize noHushayi waseArki, sive into esemlonyeni wakhe naye.
17:6b.2SA.017.006 Weza uHushayi kuAbhisalom; wathi uAbhisalom kuye, UAhitofele uthethe eli lizwi wenjenje. Senze ngelizwi lakhe, singenzi ngalo, kusini na? Khawutsho wena.
17:7b.2SA.017.007 Wathi uHushayi kuAbhisalom, Icebo uAhitofele acebisa lona alilungile okwangoku.
17:8b.2SA.017.008 Wathi uHushayi, Wena uyamazi uyihlo namadoda akhe, ukuba ngamagorha amphefumlo ulugcalagcala, njengebhere ehluthwe amathole ayo ezindle; uyihlo yindoda eqhele ukulwa, akalali ebantwini.
17:9b.2SA.017.009 Yabona, kungokunje uzimele emgongxweni, nokuba kukwenye indawo. Kothi ke, xa athe wabawela ekuqaleni, eve ovayo, athi, Kukho uxabelo ebantwini abamlandelayo uAbhisalom;
17:10b.2SA.017.010 athi nomfo onobukroti, ontliziyo injengentliziyo yengonyama, anyibilike kuphele. Ngokuba onke amaSirayeli ayazi ukuba uyihlo ligorha, abo banaye ngamakroti.
17:11b.2SA.017.011 Ndithi elam icebo, makahlanganiswe, ahlanganiselwe kuwe, onke amaSirayeli, athabathele kwaDan ese eBher-sheba, abe njengentlabathi engaselwandle ubuninzi, uye emfazweni ngesiqu.
17:12b.2SA.017.012 Sofika ke kuye endaweni, apho afumaneke khona, sithi qatha phezu kwakhe, njengokulala kombethe emhlabeni, kungasali namnye kuye nakumadoda onke anaye.
17:13b.2SA.017.013 Ke ukuba uthe warholela emzini, onke amaSirayeli ozisa izintya kuloo mzi, siwukrwiqilizele emlanjeneni, kude kungafumaneki nelityana khona.
17:14b.2SA.017.014 Wathi uAbhisalom namadoda onke akwaSirayeli, Icebo likaHushayi umArki lilungile kunecebo lika-Ahitofele. UYehova wayemise ukuba litshitshiswe icebo elilungileyo lika-Ahitofele, ukuze uYehova amzisele ububi uAbhisalom.
17:15b.2SA.017.015 Wathi uHushayi kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, Wenjenje, wenjenje uAhitofele ukumpha icebo uAbhisalom namadoda amakhulu akwaSirayeli; ke mna ndenjenje, ndenjenje ukubapha icebo.
17:16b.2SA.017.016 Thumelani ke ngoko kamsinya, nimxelele uDavide, nithi, Musa ukulala ngobu busuku emazibukweni entlango; khawuleza uwele, hleze aginywe ukumkani nabantu bonke anabo.
17:17b.2SA.017.017 Ke kaloku uYonatan noAhimahatse babemi e-En-rogele; waye umkhonzazana emana ukubaxelela; baya ke bona baxelela ukumkani uDavide; ngokuba babengenakuya besiza phakathi komzi ekuhleni.
17:18b.2SA.017.018 Umfana wababona, waxelela uAbhisalom. Bobabini ke basaba ngokukhawuleza, bafika endlwini yendoda eBhahurim ebinequla entendelezweni yayo, behla, behlela khona apho.
17:19b.2SA.017.019 Intokazi yathabatha isigqubuthelo, yasitwabulula emlonyeni wequla elo, yaneka phezu kwaso irhasi engqushiweyo; ayaziwa ke loo nto.
17:20b.2SA.017.020 Bafika abakhonzi baka-Abhisalom kuloo ntokazi endlwini, bathi, Baphi na ooAhimahatse noYonatan? Yathi loo ntokazi kubo, Bawele umlanjana lo unamanzi. Bafuna ke, ababafumana; babuyela eYerusalem.
17:21b.2SA.017.021 Kwathi emva kokumka kwabo, baphuma equleni, baya bamxelela ukumkani uDavide; bathi kuDavide, Sukani niwele kamsinya emanzini; ngokuba wenjenje uAhitofele ukubapha icebo ngani.
17:22b.2SA.017.022 Wesuka ke uDavide nabantu bonke anabo, bayiwela iYordan; kwathi kusasa kwabe kungasekho namnye ungayiwelanga iYordan.
17:23b.2SA.017.023 Ebonile uAhitofele ukuba akwenziwanga ngelakhe icebo, wabopha iesile, wesuka, wagoduka, waya emzini wakhe, wayolela, wazikrwitsha wafa; wangcwatyelwa engcwabeni likayise.
17:24b.2SA.017.024 UDavide wafika eMahanayim; uAbhisalom wayiwela iYordan, yena namadoda onke akwaSirayeli kunye naye.
17:25b.2SA.017.025 UAbhisalom wammisa uAmasa esikhundleni sikaYowabhi phezu komkhosi. Ke uAmasa ebengunyana wendoda egama linguItra, engumYizereli, eyangena kuAbhigali intombi kaNahashe, udade boTseruya, unina boYowabhi.
17:26b.2SA.017.026 AmaSirayeli noAbhisalom bamisa ezweni laseGiliyadi.
17:27b.2SA.017.027 Kwathi, akufika uDavide eMahanayim, uShobhi unyana kaNahashe, waseRabha yakoonyana baka-Amon, noMakire unyana ka-Amiyeli, waseLo-debhare, noBharzilayi, waseGiliyadi waseRogelim,
17:28b.2SA.017.028 bazisa iinkuko, nezitya, nemiphanda, nengqolowa, nerhasi, nomgubo, namakhweba neembotyi, neentlumaya, nezinye izinto ezigcadiweyo,
17:29b.2SA.017.029 nobusi, namasi, nempahla emfutshane, nezonka zamasi enkomo, kuDavide nabantu abenabo, ukuze badle; kuba babesithi, Abantu balambile, batyhafile, banxaniwe entlango.
18
18:1b.2SA.018.001 UDavide wababala abantu abenabo, wamisa abathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu phezu kwabo.
18:2b.2SA.018.002 UDavide wasinikela isahlulo sesithathu sabantu esandleni sikaYowabhi, nesahlulo sesithathu esandleni sika-Abhishayi unyana kaTseruya, umninawa kaYowabhi, nesahlulo sesithathu esandleni sikaItayi waseGati. Wathi ukumkani ebantwini, Nam ndiya kuphuma, ndiphume nani.
18:3b.2SA.018.003 Bathi abantu, Uze ungaphumi; ngokuba xa sithe sasaba, sisabile, abayi kusibekela ntliziyo thina; nokuba kuthe kwafa isiqingatha kuthi, abayi kusibekela ntliziyo; ngokuba ungangamawaka alishumi kuthi; kulungile kanye ukuba usincede, ukuwo umzi.
18:4b.2SA.018.004 Wathi ukumkani kubo, Okulungileyo emehlweni enu ndokwenza. Ukumkani wema ecaleni lesango, abantu bonke baphuma ngamakhulu nangamawaka.
18:5b.2SA.018.005 Ukumkani wabawisela umthetho uYowabhi noAbhishayi noItayi, wathi, Mphatheni kakuhle umfana uAbhisalom, ngenxa yam. Beva bonke abantu ukubawisela kokumkani umthetho abathetheli ngenxa ka-Abhisalom.
18:6b.2SA.018.006 Baphuma ke abantu, baya ezindle, bawahlangabeza amaSirayeli; kwaliwa ehlathini lakwaEfrayim;
18:7b.2SA.018.007 babulawelwa khona abantu bakwaSirayeli phambi kwabakhonzi bakaDavide; ngaloo mini kwabakho khona uxabelo olukhulu, amawaka angamashumi omabini.
18:8b.2SA.018.008 Kwaphangalala khona ukulwa phezu kwelizwe lonke; ihlathi ladla ebantwini into eninzi, ngaphezu kokudla kwekrele, ngaloo mini.
18:9b.2SA.018.009 UAbhisalom waqubisana nabakhonzi bakaDavide. UAbhisalom waye ekhwele kundlebende, undlebende wangena phantsi kwentshinyela yomterebhinti omkhulu; yabambeka emterebhintini intloko yakhe, waphakathi kwezulu nomhlaba; wemka undlebende obephantsi kwakhe.
18:10b.2SA.018.010 Yabona indoda ethile, yamxelela uYowabhi, yathi, Khangela, ndimbonile uAbhisalom exhomekile emterebhintini.
18:11b.2SA.018.011 Wathi uYowabhi kuloo ndoda imxeleleyo, Khangela, umbonile nje, ibiyini na ukuba ungambethi awe khona emhlabeni? Ngendikunike ishumi lesilivere nombhinqo.
18:12b.2SA.018.012 Yathi loo ndoda kuYowabhi, Ndingafanelana ndilinganiselwe esandleni sam iwaka lesilivere, bendingede ndise isandla sam kunyana wokumkani; ngokuba ukumkani, sisiva, wakuwisela umthetho, wena noAbhishayi noItayi, wathi, Nokuba ngoobani, ize bamgcine umfana uAbhisalom.
18:13b.2SA.018.013 Okanye ukuba bendithe ndenza ubuxoki emphefumlweni wakhe kuba kungekho nto ikhanyelekayo kukumkaniwena ubuya kundichasa.
18:14b.2SA.018.014 Wathi uYowabhi, Andinakwenjenje, ndilibale nguwe. Wathabatha izikhali zazithathu ngesandla sakhe, wamhlaba uAbhisalom entliziyweni, esaphilile, emterebhintini apho.
18:15b.2SA.018.015 Amrhawula amadodana alishumi angabaphathi bempahla kaYowabhi, atsho kuAbhisalom, ambulala.
18:16b.2SA.018.016 Wavuthela uYowabhi isigodlo, babuya abantu ekuwasukeleni amaSirayeli; ngokuba uYowabhi wabanqanda abantu.
18:17b.2SA.018.017 Bamthabatha uAbhisalom, bamphosa ehlathini emgongxweni omkhulu, bafumba imfumba enkulu kakhulu yamatye phezu kwakhe. Asaba onke amaSirayeli, elowo waya ententeni yakhe.
18:18b.2SA.018.018 Ke kaloku uAbhisalom ekudleni kwakhe ubomi wayethabathe wazimisela ilitye elisentilini yokumkani; ngokuba ubesithi, Andinanyana wokulikhumbuza igama lam. Walibiza ngegama lakhe elo litye: labizwa ngokuthi sisikhumbuzo sika-Abhisalom unanamhla.
18:19b.2SA.018.019 Wathi uAhimahatse, unyana kaTsadoki, Mandigidime, ndimshumayeze ukumkani iindaba ezilungileyo zokuba uYehova umgwebele, wamkhulula ezandleni zeentshaba zakhe.
18:20b.2SA.018.020 Wathi uYowabhi kuye, Akunguye mfo weendaba ezilungileyo namhla; woshumayela iindaba ezilungileyo ngenye imini, kodwa namhla akusayi kushumayela zindaba zilungileyo, ngokuba unyana wokumkani ufile.
18:21b.2SA.018.021 Wathi uYowabhi kuKushi, Hamba uye kumxelela ukumkani okubonileyo. Waqubuda uKushi kuYowabhi, wagidima ke.
18:22b.2SA.018.022 Wabuya waphinda uAhimahatse, unyana kaTsadoki, wathi kuYowabhi, Nokuba kutheni, makhe ndimlandele nam uKushi. Wathi uYowabhi, Yini na ukuba ugidime, nyana wam, ungenazindaba zilungileyo zinanzuzo nje?
18:23b.2SA.018.023 Wathi, Nokuba kutheni, mandigidime. Wathi kuye, Gidima. Wagidima ke uAhimahatse ngendlela yaloo mmandla, wegqitha kuKushi.
18:24b.2SA.018.024 Ke uDavide ebehleli phakathi kwamasango amabini. Umlindi waya emphezulwini wesango eludongeni, waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza indoda, ibaleka iyodwa.
18:25b.2SA.018.025 Wamemeza umlindi, waxelela ukumkani. Wathi ukumkani, Ukuba iyodwa, ineendaba ezilungileyo emlonyeni wayo. Yeza isiza yasondela.
18:26b.2SA.018.026 Umlindi wabona enye indoda ibaleka; umlindi wamemeza esangweni, wathi, Nantsiya indoda ibaleka iyodwa. Wathi ukumkani, Naleyo ingumshumayeli weendaba ezilungileyo.
18:27b.2SA.018.027 Wathi umlindi, Ndikubona ukubaleka kwephambili kufana nokubaleka kuka-Ahimahatse, unyana kaTsadoki. Wathi ukumkani, Yindoda elungileyo leyo, iza neendaba ezilungileyo.
18:28b.2SA.018.028 Wamemeza uAhimahatse, wathi kukumkani, Hlala kakuhle. Waqubuda ngobuso emhlabeni kukumkani, wathi, Makabongwe uYehova uThixo wakho, owanikeleyo amadoda asiphakamisileyo isandla sawo enkosini yam ukumkani.
18:29b.2SA.018.029 Wathi ukumkani, Ihleli kakuhle na indodana uAbhisalom? Wathi uAhimahatse, Ndibone ingxokolo enkulu, ekumthumeni kukaYowabhi umkhonzi kakumkani, nomkhonzi wakho lo, ndingazi ukuba yintoni na.
18:30b.2SA.018.030 Wathi ukumkani, Shenxela ecaleni, ume apha. Washenxa wema.
18:31b.2SA.018.031 Nanko ke uKushi efika. Wathi uKushi, Mayishunyayezwe iindaba ezilungileyo inkosi yam ukumkani; ngokuba uYehova ukugwebele namhla, wakukhulula esandleni sabo bonke ababesukele phezulu kuwe.
18:32b.2SA.018.032 Wathi ukumkani kuKushi, Ihleli kakuhle na indodana uAbhisalom? Wathi uKushi, Iintshaba zenkosi yam ukumkani, nabo bonke abasukele phezulu kuwe ukukwenza into embi, mababe njengaloo ndodana.
18:33b.2SA.018.033 Wagungqa ukumkani; wenyuka waya egumbini eliphezu kwesango, walila, wathetha ekuyeni kwakhe, esithi, Nyana wam, Abhisalom, nyana wam, nyana wam, Abhisalom! Akwaba bekufe mna esikhundleni sakho, Abhisalom, nyana wam, nyana wam!
19
19:1b.2SA.019.001 Kwaxelwa kuYowabhi, kwathiwa, Nanko ukumkani elila, esenza isijwili ngoAbhisalom.
19:2b.2SA.019.002 Usindiso lwajika lwaba sisijwili ngaloo mini ebantwini bonke; ngokuba abantu beva ngaloo mini kusithiwa, Ukumkani wenza isijwili ngonyana wakhe.
19:3b.2SA.019.003 Abantu banyebeleza ngaloo mini ukungena kwabo phakathi komzi, njengokunyebeleza kwabantu abazihlazisileyo ngokusaba ekulweni.
19:4b.2SA.019.004 Ke ukumkani wazigqubuthela ubuso, wahlahlamba ukumkani ngezwi elikhulu, wathi, Nyana wam, Abhisalom! Abhisalom, nyana wam, nyana wam!
19:5b.2SA.019.005 Weza uYowabhi kukumkani endlwini, wathi, Ubudanisile namhla ubuso babakhonzi bakho bonke, abawusindisileyo namhla umphefumlo wakho, nomphefumlo woonyana bakho noweentombi zakho, nomphefumlo wabafazi bakho, nomphefumlo wamashweshwe akho,
19:6b.2SA.019.006 ngokubathanda abakuthiyayo, nangokubathiya abakuthandayo. Ngokuba uxelile namhla, ukuba abanto kuwe abathetheli nabakhonzi; ngokuba ndazile namhla, ukuba ngekulungile emehlweni akho, ukuba ubethe wadla ubomi uAbhisalom, thina safa sonke siphela.
19:7b.2SA.019.007 Vuka kaloku, uphume, uthethe kakuhle nabakhonzi bakho; ngokuba ndifunga uYehova; ukuba akuthanga uphume, inene, akuyi kuhlala mntu nawe ngobu busuku; kube kubi kuwe oko, ngaphezu kobubi bonke obukufikeleyo, kuthabathela ebuncinaneni bakho kuzise kweli xesha.
19:8b.2SA.019.008 Wavuka ke ukumkani, wahlala esangweni; kwaxelwa ebantwini bonke, kwathiwa, Nanko ukumkani ehleli esangweni. Beza ke bonke abantu phambi kokumkani. Ke amaSirayeli abesabile, elowo waya ententeni yakhe.
19:9b.2SA.019.009 Abantu bonke babephikisana ezizweni zonke zakwaSirayeli, besithi, Ukumkani wasisiza esandleni seentshaba zethu, wasisindisa esandleni samaFilisti; ngoku ubalekile kweli lizwe ngenxa ka-Abhisalom;
19:10b.2SA.019.010 ke uAbhisalom, esamthambisayo ukuba abe phezu kwethu, ufele emfazweni; ke ngoko nithele cwaka ni na, ukuba ningambuyisi nje ukumkani?
19:11b.2SA.019.011 Ke kaloku ukumkani uDavide wathumela kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, wathi, Thethani kumadoda amakhulu akwaYuda, nithi, Yini na ukuba nibe ngabokugqibela ekumbuyiseleni endlwini yakhe ukumkani, intetho yamaSirayeli onke ifikile nje kukumkani endlwini yakhe?
19:12b.2SA.019.012 Ningabazalwana bam, nilithambo lam, nenyama yam; yini na ukuba nibe ngabokugqibela ekumbuyiseni ukumkani?
19:13b.2SA.019.013 Nithi ke kuAmasa, Akulilo ithambo lam nenyama yam na? UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje, ukuba akuthe waba ngumthetheli womkhosi phambi kwam yonke imihla esikhundleni sikaYowabhi.
19:14b.2SA.019.014 Wayitsala intliziyo yamadoda onke akwaYuda njengandoda-nye; athumela kukumkani athi, Buya wena, nabakhonzi bakho bonke.
19:15b.2SA.019.015 Wabuya ke ukumkani, wafika eYordan. Ke amaYuda afika eGiligali, esiya kumkhawulela ukumkani, amweze ukumkani eYordan.
19:16b.2SA.019.016 UShimehi unyana kaGera, umBhenjamin waseBhahurim, wakhawuleza, wehla namadoda akwaYuda, esiya kumkhawulela ukumkani uDavide,
19:17b.2SA.019.017 enewaka lamadoda akwaBhenjamin, noTsibha umkhonzi wendlu kaSawule, noonyana bakhe abalishumi elinabahlanu, nabakhonzi bakhe abangamashumi amabini kunye naye; baphumela eYordan phambi kokumkani.
19:18b.2SA.019.018 Kwawela umkhombe wokuweza, ukuba uyiweze indlu yokumkani, wenze okulungileyo emehlweni akhe. UShimehi, unyana kaGera, wawa phambi kokumkani ekuweleni kwakhe eYordan,
19:19b.2SA.019.019 wathi kukumkani, Inkosi yam mayingabaleli bugwenxa kum, ungakukhumbuli oko wakwenzayo umkhonzi wakho ngobugwenxa, ngalaa mini yaphuma ngayo inkosi yam ukumkani eYerusalem, ukuba ukumkani akubekele intliziyo oko.
19:20b.2SA.019.020 Ngokuba umkhonzi wakho lo uyazi, ukuba wona ngalaa nto; nanku, ndingowokuqala ofikileyo namhla wasendlwini yonke kaYosefu, ukuba ndihle ndiyikhawulele inkosi yam ukumkani.
19:21b.2SA.019.021 Waphendula uAbhishayi unyana kaTseruya, wathi, UShimehi akayi kubulawa na ngalaa nto, ngokuba wamtsha bhisayo umthanjiswa kaYehova?
19:22b.2SA.019.022 Wathi uDavide, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya, ngokuba ningabachasi bam namhla? Kukho mntu na kwaSirayeli apha uya kubulawa namhla? Ngokuba andazi yini na, ukuba ndingukumkani kwaSirayeli namhlanje?
19:23b.2SA.019.023 Wathi ukumkani kuShimehi, Akuyi kufa. Ukumkani wamqinisisa ngesifungo.
19:24b.2SA.019.024 Ke uMefibhoshete, unyana kaSawule, wehla waya kumkhawulela ukumkani, engazihlambanga iinyawo zakhe, engazichazanga iindevu zakhe, engazihlambanga neengubo zakhe, kususela kwimini yokumka kokumkani, kwada kwayimini yokufika kwakhe enoxolo.
19:25b.2SA.019.025 Kwathi, ekufikeni kwakhe eYerusalem, eza kukhawulela ukumkani, wathi ukumkani kuye, Ibiyini na ukuba ungahambi nam, Mefibhoshete?
19:26b.2SA.019.026 Wathi, Nkosi yam kumkani, umkhonzi wam lowa undikhohlisile; ngokuba umkhonzi wakho lo undim ubesithi, Ndiya kuzibophela iesile, ndikhwele kulo, ndihambe nokumkani; ngokuba umkhonzi wakho lo undim usisiqhwala.
19:27b.2SA.019.027 Wesuka yena wamhleba umkhonzi wakho lo undim enkosini yam ukumkani. Inkosi yam ukumkani injengesithunywa sikaThixo; yenza okulungileyo emehlweni akho.
19:28b.2SA.019.028 Ngokuba yonke indlu kabawo ibingento yimbi enkosini yam ukumkani, ibingabantu bokufa; wena wambeka umkhonzi wakho lo undim phakathi kwabadla etafileni yakho. Ndisenabango lini na ke, ndisenakukhala ngantoni na kukumkani?
19:29b.2SA.019.029 Wathi ukumkani kuye, Usathethela ntoni na ngeendawo zakho? Ndithe, Yahlulelanani ngomhlaba lowo wena noTsibha.
19:30b.2SA.019.030 Wathi uMefibhoshete kukumkani, Makawuthabathe wonke, iselifikile nje inkosi yam ukumkani inoxolo endlwini yayo.
19:31b.2SA.019.031 UBharzilayi waseGiliyadi wehla eRogelim, wawela nokumkani eYordan, ukuba amkhaphele phesheya kweYordan.
19:32b.2SA.019.032 Ke uBharzilayi ebeyingwevu enkulu, eminyaka imashumi asibhozo ezelwe. Yena ebemxhasile ukumkani ekuhlaleni kwakhe eMahanayim; ngokuba ebengumntu omkhulu kunene.
19:33b.2SA.019.033 Wathi ukumkani kuBharzilayi, Wela nam wena, ndikuxhase ukum eYerusalem.
19:34b.2SA.019.034 Wathi uBharzilayi kukumkani, Mingaphi na imihla yeminyaka yokudla kwam ubomi, ukuba ndinyuke ndiye eYerusalem nokumkani?
19:35b.2SA.019.035 Namhla ndiminyaka imashumi asibhozo ndizelwe; ndinako na ukwazi okulungileyo kokubi? Unako na umkhonzi wakho lo ukuyiva into ayidlayo nayiselayo? Ndisenako na ukuva ilizwi leemvumi neleemvumikazi? Yini na ukuba umkhonzi wakho lo abuye abe ngumthwalo kwinkosi yam ukumkani?
19:36b.2SA.019.036 Umkhonzi wakho lo uya kuyiwela ke iYordan nokumkani umzuzwana; yini na ukuba ukumkani andiphathe ngale mpatho?
19:37b.2SA.019.037 Makhe abuye umkhonzi wakho lo, ukuze ndifele emzini wam, ngasengcwabeni likabawo noma. Nanko umkhonzi wakho, uKimham; makuwele yena nenkosi yam ukumkani, umenzele okulungileyo emehlweni akho.
19:38b.2SA.019.038 Wathi ukumkani, UKimham wowela nam, ndimenzele mna okulungileyo emehlweni akho; nento yonke othe wayinyula, wayibeka phezu kwam, ndokwenzela.
19:39b.2SA.019.039 Bawela ke bonke abantu eYordan. Ewelile ukumkani, ukumkani wamanga uBharzilayi, wamsikelela; waza wabuyela endaweni yakhe.
19:40b.2SA.019.040 Wawela ke ukumkani, waya eGiligali, wawela ke naye uKimham; bonke abantu bakwaYuda bamweza ukumkani, kwanesiqingatha sabantu bakwaSirayeli.
19:41b.2SA.019.041 Nanko kusiza onke amadoda akwaSirayeli kukumkani, athi kukumkani, Yini na ukuba abazalwana bethu, amadoda akwaYuda, bambe, bamweze ukumkani nendlu yakhe eYordan, enamadoda onke kaDavide?
19:42b.2SA.019.042 Aphendula onke amadoda akwaYuda kumadoda akwaSirayeli, athi, Kungokuba ukumkani esalamana nathi; yini na ukuba nivuthe ngumsindo ngale ndawo? sikhe sadla nto na kukumkani? sikhe saphiwa nto na?
19:43b.2SA.019.043 Aphendula amadoda akwaSirayeli kumadoda akwaYuda, athi, Sinezahlulo ezilishumi thina kukumkani nakuDavide sinokungaphezu kwenu; yini na ukuba nisicukuceze? Ilizwi lethu lokumbuyisa ukumkani wethu belingaqale kuthi yini na? Laba lukhuni ilizwi lamadoda akwaYuda kunelizwi lamadoda akwaSirayeli.
20
20:1b.2SA.020.001 Kwathi gaxa khona indoda elitshijolo, egama linguShebha, unyana kaBhikri, umBhenjamin. Yavuthela isigodlo, yathi, Asinasabelo thina kuDavide, asinalifa kunyana kaYese; yiyani elowo ezintenteni zenu, maSirayeli.
20:2b.2SA.020.002 Enyuka ke onke amadoda akwaSirayeli, emka ekumlandeleni uDavide, alandela uShebha unyana kaBhikri; ke amadoda akwaYuda anamathela kukumkani wawo, ethabathela eYordan esa eYerusalem.
20:3b.2SA.020.003 Weza uDavide endlwini yakhe eYerusalem; ukumkani wabathabatha abafazi bakhe abalishumi abangamashweshwe, abebashiyile ukuba bagcine indlu, wababeka endlwini yogcino, wabaxhasa, akangena kubo. Bavalelwa ke yada yaba yimini yokufa kwabo, behleli bengabahlolokazi.
20:4b.2SA.020.004 Wathi ukumkani kuAmasa, Ndihlabele umkhosi kumadoda akwaYuda ngemihla emithathu, ubekho nawe apha.
20:5b.2SA.020.005 UAmasa waya kuwahlabela umkhosi amaYuda, walibala ngaphezu kwexesha abemiselwe lona.
20:6b.2SA.020.006 Wathi uDavide kuAbhishayi, Kungokunje uShebha, unyana kaBhikri, uya kusenzela ububi ngaphezu koAbhisalom; bathabathe wena abakhonzi benkosi yakho, umsukele, hleze afumane imizi enqatyisiweyo, asizimele.
20:7b.2SA.020.007 Aphuma amlandela amadoda kaYowabhi, nabancinithi, nezigidimi, namagorha onke; baphuma ke eYerusalem, baya kumsukela uShebha unyana kaBhikri.
20:8b.2SA.020.008 UAmasa weza kubo besetyeni elikhulu eliseGibheyon. Ke uYowabhi ubeyibhinqile ingubo yakhe yokulwa, umbinqo wekrele unxitywe ngaphezu kwayo esinqeni sakhe, lisesingxobeni salo; sancothuka ke, lawa ikrele.
20:9b.2SA.020.009 Wathi uYowabhi kuAmasa, Usahleli kakuhle na, mzalwana wam? UYowabhi wambamba uAmasa ngeendevu ngesandla sokunene, ukuba amange.
20:10b.2SA.020.010 Ke uAmasa ubengalilumkele ikrele elibe lisesandleni sikaYowabhi. Wamhlaba ngalo esiswini, wamphalaza izibilini emhlabeni, akaphinda amhlabe; wafa. UYowabhi noAbhishayi umzalwana wakhe bamsukela uShebha, unyana kaBhikri.
20:11b.2SA.020.011 Kwema enye kumadodana akwaYowabhi ngakuye, yathi, Ubani ononelele uYowabhi, nongakuDavide, makalandele uYowabhi.
20:12b.2SA.020.012 UAmasa watyikatyikeka egazini emendweni. Yabona indoda leyo, ukuba abantu bonke bathe nqumama, yamsusa uAmasa emendweni, yamshenxisela ecaleni, yaphosa ingubo phezu kwakhe; ngokokuba ibibona bemana ukuthi nqumama bonke abafika kuye.
20:13b.2SA.020.013 Akususwa ke emendweni, onke amadoda egqitha, alandela uYowabhi, asukela uShebha, unyana kaBhikri.
20:14b.2SA.020.014 Wacanda ezizweni zonke zakwaSirayeli, waya eAbhele naseBhete-mahaka; namadodana onke abizelwa ndawonye, eza amlandela nawo.
20:15b.2SA.020.015 Bafika bamngqinga eAbhele-bhete-mahaka, bawufumbela udonga lokungqinga umzi lowo, lwema phezu komsele wongqameko; baye bonke abantu ababenoYowabhi beluqhuqha, ukuze udonga lomzi luwe.
20:16b.2SA.020.016 Kwamemeza intokazi elumkileyo ikuloo mzi, yathi, Yivani, yivani; khanithi kuYowabhi, Sondela apha, ndithethe nawe.
20:17b.2SA.020.017 Wasondela ke kuyo; yathi loo ntokazi, UnguYowabhi na? Wathi, Ndinguye. Yathi kuye, Phulaphula amazwi omkhonzazana wakho. Wathi, Ndiyeva.
20:18b.2SA.020.018 Yatsho yathi, Kwakufudula kusithiwa, Ukubuza makubuzwe eAbhele, benjenjalo ukuyifeza into.
20:19b.2SA.020.019 Ndingowabaxolileyo, abathembekileyo kwaSirayeli; ke ufuna ukubulala umzi ongunozala kwaSirayeli. Yini na ukuba uliginye ilifa likaYehova?
20:20b.2SA.020.020 Waphendula uYowabhi, wathi, Makube lee, makube lee kum, ukuba ndiginye nokuba ndonakalise.
20:21b.2SA.020.021 Hayi, akunjalo; kusuke indoda yasezintabeni zakwaEfrayim, enguShebha ngegama, unyana kaBhikri, yasiphakamisa isandla sayo kukumkani, kuDavide; khuphani yona yodwa, ndomka kulo mzi. Yathi loo ntokazi kuYowabhi, Yabona, intloko yayo iya kugityiselwa kuwe phezu kodonga.
20:22b.2SA.020.022 Yaya loo ntokazi kubantu bonke ngobulumko bayo. Bayinqumla ke intloko kaShebha, unyana kaBhikri, bayigibisela kuYowabhi. Wavuthela isigodlo, baphangalala bemka kuloo mzi, elowo waya ententeni yakhe. UYowabhi wabuyela eYerusalem kukumkani.
20:23b.2SA.020.023 Ke kaloku uYowabhi wawuphatha wonke umkhosi wakwaSirayeli; uBhenaya, unyana kaYehoyada, waphatha abancinithi nezigidimi.
20:24b.2SA.020.024 UAdoram waphatha abafakwa uviko; uYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, ubengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu.
20:25b.2SA.020.025 USheva ubengumbhali; uTsadoki noAbhiyatare baye bengababingeleli.
20:26b.2SA.020.026 Kananjalo uIra waseYahire ubengumbingeleli kuDavide.
21
21:1b.2SA.021.001 Ke kwabakho indlala ngemihla kaDavide iminyaka yamithathu, umnyaka ngomnyaka. UDavide wafuna ubuso bukaYehova. Wathi uYehova, Kungenxa kaSawule, nangenxa yendlu yamagazi akhe, ngenxa enokuba wabulala abaseGibheyon.
21:2b.2SA.021.002 Ukumkani wababiza ke abaseGibheyon, wathi kubo (ke kaloku abaseGibheyon babengengabonyana bakaSirayeli, babengamaqongqolo ama-Amori; oonyana bakaSirayeli babewaqinisise ngesifungo; uSawule wafuna ukuwabulala ngokuzondelela kwakhe amaSirayeli namaYuda):
21:3b.2SA.021.003 wathi ke uDavide kwabaseGibheyon, Ndinenzele ntoni na? Ndicamagushe ngantoni na, ukuze nilisikelele ilifa likaYehova?
21:4b.2SA.021.004 Bathi abaseGibheyon kuye, Akunathi ukubiza isilivere negolide kuSawule nakwindlu yakhe; akunathi ukubulala umntu kwaSirayeli. Wathi kubo, Nithi ke, mandinenzele ntoni na?
21:5b.2SA.021.005 Bathi kukumkani, Indoda eyasigqibayo, eyagqiba kwelokuba sitshatyalaliswe, singemi emdeni wonke wakwaSirayeli,
21:6b.2SA.021.006 makunikelwe kuthi isixhenxe samadoda koonyana bayo, siwabethelele eminqamlezweni kuYehova eGibheha kaSawule, umnyulwa kaYehova. Wathi ukumkani, Ndowanikela mna.
21:7b.2SA.021.007 Ke ukumkani wamsindisa uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, ngenxa yesifungo sikaYehova esibe siphakathi kwabo, phakathi koDavide noYonatan unyana kaSawule.
21:8b.2SA.021.008 Ukumkani wathabatha oonyana ababini bakaRitspa intombi ka-Aya, awayizalela uSawule, uArmoni noMefibhoshete; noonyana abahlanu bakaMeribha intombi kaSawule, awabazalela uAdriyeli unyana kaBharzilayi waseMehola.
21:9b.2SA.021.009 Wabanikela esendleni sabaseGibheyon, ababethelela eminqamlezweni entabeni phambi koYehova, sawa kunye isixhenxe eso. Babulawa bona ngeemini zokuqala zokuvuna, ekuqaleni kokuvunwa kwerhasi.
21:10b.2SA.021.010 URitspa, intombi ka-Aya, wathabatha ingubo erhwexayo, wazanekela eweni, esusela ekuqaleni kokuvuna, wezisa ekuthululweni kwamanzi ezulwini phezu kwabo; akavuma ukuba iintaka zezulu zithi vu phezu kwabo emini, namarhamncwa asendle ebusuku.
21:11b.2SA.021.011 Waxelelwa uDavide awakwenzayo uRitspa intombi ka-Aya, ishweshwe likaSawule.
21:12b.2SA.021.012 UDavide waya, wawathabatha amathambo kaSawule, namathambo kaYonatan unyana wakhe, kubemi baseYabheshe yeGiliyadi, ababewabile endaweni yembutho yaseBhete-shan, apho amaFilisti abebaxhome khona, mini amaFilisti ambulalayo uSawule eGilibhowa;
21:13b.2SA.021.013 wawanyusa khona amathambo kaSawule namathambo kaYonatan unyana wakhe, bawabutha namathambo abo babebethelelwe eminqamlezweni;
21:14b.2SA.021.014 amathambo kaSawule noYonatan unyana wakhe bawangcwabela ezweni lakwaBhenjamin eTsela, engcwabeni likaKishe uyise; bakwenza konke abewise umthetho ngako ukumkani. Wandula wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe.
21:15b.2SA.021.015 Kwabuya kwabakho ukulwa kwamaFilisti namaSirayeli, wehla uDavide enabakhonzi bakhe, balwa namaFilisti; watyhafa uDavide.
21:16b.2SA.021.016 Wathi uIshbhi-bhenobhi, obengowoonyana bakaRafa, obunzima bentshuntshe yakhe bebungamakhulu omathathu obhedu ubunzima bayo, enxibe ikrele elitsha, waba womxabela uDavide.
21:17b.2SA.021.017 UAbhishayi unyana kaTseruya wamnceda, wamxabela umFilisti lowo, wambulala. Aza amadoda kaDavide amfungela esithi, Uze ungabuyi uphume nathi uye ekulweni, ucime isibane samaSirayeli.
21:18b.2SA.021.018 Kwathi emveni kokuba njalo, kwabuya kwabakho ukulwa namaFilisti eGobhi; oko uSibhekayi umHusha wamxabelayo uSafu, obengowoonyana bakaRafa.
21:19b.2SA.021.019 Kwabuya kwabakho ukulwa namaFilisti eGobhi, apho uElihanan, unyana kaYahare-oregim waseBhetelehem, wamxabelayo uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, oluthi lwentshuntshe yakhe lwalungangomthi wabaluki.
21:20b.2SA.021.020 Kwabuya kwabakho ukulwa eGati. Kwakho ndoda iyingxilimbela, ibineminwe emithandathu sandleni sinye, namazwane amathandathu lunyaweni lunye, amashumi amabini anamane ngenani; nayo ibizalwa nguRafa.
21:21b.2SA.021.021 Yawangcikiva amaSirayeli, wayixabela uYonatan unyana kaShimeha, umkhuluwa kaDavide.
21:22b.2SA.021.022 Abo bobane bazalwa nguRafa eGati; bawa ngesandla sikaDavide, nangesandla sabakhonzi bakhe.
22
22:1b.2SA.022.001 Wathetha uDavide kuYehova amazwi ale ngoma, mini uYehova wamhlangulayo esandleni seentshaba zakhe zonke, nasesandleni sikaSawule, wathi:
22:2b.2SA.022.002 Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msizi wam mna lo,
22:3b.2SA.022.003 Thixo oliliwa lam, endizimela ngalo; Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, Ngxonde yam, ndawo yokusabela kwam, Msindisi wam, undisindisa ekugonyamelweni.
22:4b.2SA.022.004 Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa, Ndiyasindiswa ke ezintshabeni zam.
22:5b.2SA.022.005 Akundijikela amaza alwayo okufa, Yakundidandathekisa imilambo yobutshijolo,
22:6b.2SA.022.006 Zakundibhijela izintya zelabafileyo, Zakundirhintyela izirhintyelo zokufa,
22:7b.2SA.022.007 Ekubandezelekeni kwam, ndanqula uYehova, Ndamnqula uThixo wam: Waliva etempileni yakhe izwi lam, Ukuzibika kwam kwafika ezindlebeni zakhe.
22:8b.2SA.022.008 Lahexa ke lanyikima ihlabathi, Iziseko zezulu zagungqa, Zahexa ngokuba enomsindo.
22:9b.2SA.022.009 Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe, Wadla umlilo uphuma emlonyeni wakhe, Avutha amalahle, ephuma kuwo.
22:10b.2SA.022.010 Wawathoba amazulu, wehla, Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.
22:11b.2SA.022.011 Wakhwela ekerubhini, waphaphazela, Wabonakala esemaphikweni omoya.
22:12b.2SA.022.012 Wamisa ubumnyama ngeenxa zonke kuye, bayiminquba, Intlanganisela yamanzi, neengqimba zamafu.
22:13b.2SA.022.013 Ekuqaqambeni okuphambi kwakhe Kwavutha amalahle omlilo.
22:14b.2SA.022.014 Wadudumisa emazulwini uYehova, Oseyangweni walikhupha izwi lakhe.
22:15b.2SA.022.015 Wathuma iintolo, wabaphangalalisa; Umbane, wabadubaduba.
22:16b.2SA.022.016 Kwabonakala imiphantsi yolwandle, Kwatyhileka iziseko zelimiweyo Ngokukhalima kukaYehova, Ngokufutha komoya womsindo wakhe.
22:17b.2SA.022.017 Wolula isandla, ephezulu, wandibamba, Wandirhola emanzini amaninzi.
22:18b.2SA.022.018 Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla, Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam.
22:19b.2SA.022.019 Bandifikela ngemini yokusindeka kwam, Waba sisixhaso kum uYehova.
22:20b.2SA.022.020 Wandikhuphela endaweni ebanzi, Wandihlangula ngokuba endinonelele.
22:21b.2SA.022.021 UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam, Wandibuyisela ngokuhlambululeka kwezandla zam.
22:22b.2SA.022.022 Ngokuba ndazigcina iindlela zikaYehova, Andemka ngokungendawo kuThixo wam.
22:23b.2SA.022.023 Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam; Nemimiselo yakhe, andityekanga kuyo.
22:24b.2SA.022.024 Ndandingogqibeleleyo kuye, Ndazinqanda ebugwenxeni bam.
22:25b.2SA.022.025 Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam, Ngokobunyulu bam, phambi kwamehlo akhe.
22:26b.2SA.022.026 Kowenceba uzenza owenceba, Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo.
22:27b.2SA.022.027 Kozenze nyulu uzenza onyulu, Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo.
22:28b.2SA.022.028 Abantu abaziintsizana uyabasindisa, Amehlo akho ajongene nabaqwayingileyo, ubathobe.
22:29b.2SA.022.029 Kuba usisibane sam, wena Yehova, UYehova ukhanyisela ubumnyama bam.
22:30b.2SA.022.030 Kuba ngawe ndigila impi, NgoThixo wam nditsiba iindonga.
22:31b.2SA.022.031 UThixo yenaigqibelele indlela yakhe, Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe, Uyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye.
22:32b.2SA.022.032 Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova? Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?
22:33b.2SA.022.033 UloThixo uligwiba lam elinamandla, Umalathisayo ogqibeleleyo indlela yakhe;
22:34b.2SA.022.034 Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi, Undimisayo emimangweni yam;
22:35b.2SA.022.035 Uzifundisayo ukulwa izandla zam, Zigobe isaphetha sobhedu iingalo zam.
22:36b.2SA.022.036 Undinike ingweletshetshe yosindiso lwakho, Ukundiphulaphula kwakho kwandikhulisa.
22:37b.2SA.022.037 Uwenzele indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam, Amaxhwele am akahexa.
22:38b.2SA.022.038 Ndiya kuzisukela iintshaba zam, ndizitshabalalise, Ndingabuyi zide ziphele.
22:39b.2SA.022.039 Ndiya kuzigqiba, ndiziphaluse, zingavuki, Ziwe phantsi kweenyawo zam.
22:40b.2SA.022.040 Undibhinqise ukukhaliphela imfazwe, Ubaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum.
22:41b.2SA.022.041 Iintshaba zam uzenze zandinikela ikhosi, Abandithiyayo ndababhangisa.
22:42b.2SA.022.042 Bayabhekabheka, kungabikho msindisi; KuYehova, angabaphenduli.
22:43b.2SA.022.043 Ndibacola njengothuli lomhlaba, Ndibacumza, ndibaxovula njengodaka lwendlela, ndibasasaze.
22:44b.2SA.022.044 Undisiza ekubambaneni kwabantu bam nam, Undigcina ndibe yintloko yeentlanga. Abantu ebendigabazi baya ndikhonza.
22:45b.2SA.022.045 Oonyana bolunye uhlanga baya kundilulamela, behanahanisa, Bandithobele besave ngeendlebe.
22:46b.2SA.022.046 Oonyana bolunye uhlunga bayantshwenya, Baphuma benovalo ekuvingcelweni kwabo.
22:47b.2SA.022.047 UYehova uhleli, lelokubongwa iliwa lam, Aphakanyiswe uThixo, iliwa losindiso lwam.
22:48b.2SA.022.048 UloThixo undiphindezelayo, Uzihliselayo phantsi kwam izizwe,
22:49b.2SA.022.049 Undikhuphayo ezintshabeni zam; Undiphakamisayo kwabasukela phezulu kum; Undihlangulayo kumfo ogonyamelayo.
22:50b.2SA.022.050 Ngenxa yoko ndiya kubulela kuwe, Yehova, phakathi kweentlanga, Ndivume kwigama lakho.
22:51b.2SA.022.051 Ulokhulisa usindiso lokumkani wakhe; Owenzayo inceba kumthanjiswa wakhe, KuDavide, nakwimbewu yakhe kude kuse ephakadeni.
23
23:1b.2SA.023.001 Ngawo la ke amazwi okugqibela kaDavide: Utsho uDavide unyana kaYese, Itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu, Umthanjiswa woThixo kaYakobi, Omihobe imnandi kwaSirayeli,
23:2b.2SA.023.002 Ukuthi, UMoya kaYehova uthetha ngam, Ukukhuluma kwakhe kuselulwimini lwam.
23:3b.2SA.023.003 Uthi uThixo kaSirayeli, ULiwa lakwaSirayeli uthetha kum, uthi, Kuya kuvela umlawuli woluntu olilungisa, Elawula ngokoyika uThixo.
23:4b.2SA.023.004 Unjengokukhanya kwentsasa, lakuphuma ilanga, Njengentsasa engenamafu, Lakusa ibisina, Lwakuphuma uhlaza endle.
23:5b.2SA.023.005 Kuba ayinjalo yini na indlu yam kuThixo? Kuba undenzele umnqophiso ongunaphakade, Walungiswa ngeento zonke, wagcinwa; Kuba ukusindiswa kwam konke, nokunqwena kwam konke, Akayi kukuhlumisa yini na?
23:6b.2SA.023.006 Ke amatshijolo onke ephela anjengemithana enameva ecukulwayo, Kuba ingenakuthatyathwa ngesandla.
23:7b.2SA.023.007 Umntu ukuyiphatha Uzalisa isandla ngentsimbi noluthi lwentshuntshe, Itshiswe itshe ngumlilo kwalapho ikhona.
23:8b.2SA.023.008 Ngawo la amagama amagorha kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon, obeyintloko yabaphathi-mikhosi; yena watyityimbisa intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu asibhozo awahlatywa ngesihlandlo esinye.
23:9b.2SA.023.009 Nganeno kwakhe nguElazare, unyana kaDodayi, unyana womAhowa, obelelinye kumagorha lawo mathathu abenoDavide ekuwangcikiveni kwawo amaFilisti, abebuthelene khona emfazweni, akubon ukuba anyukile amadoda akwaSirayeli:
23:10b.2SA.023.010 yena wesuka wawabulala amaFilisti, sada sadinwa isandla sakhe, somela ekreleni isandla sakhe; wenza ke uYehova usindiso olukhulu ngaloo mini; babuya abantu bamlandela, banela ukuthimba kuphela.
23:11b.2SA.023.011 Nganeno kwakhe nguShama, unyana ka-Age umHarari. AmaFilisti ayehlanganisene asisiqhu. Kwaye kukho apho isiqwenga somhlaba sizele ziintlumaya; basaba abantu ebusweni bamaFilisti;
23:12b.2SA.023.012 wesuka yena wema esazulwini sesiqwenga eso, wasihlutha, wawabulala amaFilisti. UYehova wenza ke usindiso olukhulu.
23:13b.2SA.023.013 Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu abaphathi-mikhosi, beza kuDavide, xa kuvunwayo, emqolombeni waseAdulam; saye isiqhu samaFilisti simise iintente entilini yamaRafa.
23:14b.2SA.023.014 UDavide oko ubesemboniselweni; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.
23:15b.2SA.023.015 Wanqwena uDavide, wathi, Akwaba, bethu, bendingasezwa amanzi equla laseBhetelehem, elisesangweni!
23:16b.2SA.023.016 Atyhudisa loo magorha mathathu empini yamaFilisti, akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ukuwasela, wawathululela phantsi phambi koYehova.
23:17b.2SA.023.017 Wathi, Makube lee kum, Yehova, ukwenza oko. Asiligazi na eli lamadoda ahambe encame imiphefumlo yawo? Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.
23:18b.2SA.023.018 Ke uAbhishayi, umninawa kaYowabhi, unyana kaTseruya, yena ube eyintloko yabaphathi-mikhosi; wathi rhuthu intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu amathathu abahlatywayo. Wayenegama ke kwabo bathathu.
23:19b.2SA.023.019 Wayezukile okunene ngaphezu kwamashumi amathathu lawo, waba ngumthetheli wawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu.
23:20b.2SA.023.020 Ke uBhenaya unyana kaYehoyada, unyana wendoda enobukroti, ozenzo zininzi, waseKabhetseli, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama equleni phakathi, mini ngekhephu.
23:21b.2SA.023.021 Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga; umYiputa lowo wayephethe intshuntshe. Wehla, waya kuye enentonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala ngentshuntshe yakhe.
23:22b.2SA.023.022 Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYehoyada; waba negama ke kumagorha lawo mathathu.
23:23b.2SA.023.023 Ubezukile kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu. UDavide wammisa ephakathini lakhe.
23:24b.2SA.023.024 UAsaheli, umninawa kaYowabhi, ebengomnye kumashumi amathathu lawo; nguElihanan unyana kaDodayi waseBhetelehem;
23:25b.2SA.023.025 nguShama waseHarodi; nguElika waseHarodi;
23:26b.2SA.023.026 nguHeletse wasePeleti; nguIra unyana kaIkeshe waseTekowa:
23:27b.2SA.023.027 nguAbhiyezere waseAnatoti; nguMebhunayi umHusha;
23:28b.2SA.023.028 nguTsalimon umAhowa; nguMaharayi waseNetofa;
23:29b.2SA.023.029 nguHelebhe, unyana kaBhahana waseNetofa; nguItayi, unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin;
23:30b.2SA.023.030 nguBhenaya wasePiraton; nguHidayi wasezihlanjeni zaseGahashe;
23:31b.2SA.023.031 nguAbhihalebhon waseArabha; nguAzemavete waseBhahurim;
23:32b.2SA.023.032 nguEliyabha waseShahalebhon; nguBhene-yashen; nguYonatan;
23:33b.2SA.023.033 nguShama umHarari; nguAhiyam, unyana kaSharare umArari;
23:34b.2SA.023.034 nguElifelete unyana ka-Ahasebhayi, unyana wowaseMahaka; nguEliyam unyana ka-Ahitofele, waseGilo;
23:35b.2SA.023.035 nguHetsero waseKarmele; nguPaharayi waseArbhi;
23:36b.2SA.023.036 nguIgali unyana kaNatan waseTsobha; nguBhani wakwaGadi;
23:37b.2SA.023.037 nguTseleke umAmon; nguNaharayi waseBheroti, umphathi weentonga zikaYowabhi unyana kaTseruya;
23:38b.2SA.023.038 nguIra umItri: nguGarebhe umItri;
23:39b.2SA.023.039 ngu-Uriya umHeti; bebonke bangamashumi omathathu anesixhenxe.
24
24:1b.2SA.024.001 Ke kaloku wabuya wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wamxhokonxela uDavide kuwo, esithi, Yiya, uwabale amaSirayeli namaYuda.
24:2b.2SA.024.002 Wathi ke ukumkani kuYowabhi, umthetheli-mpi obenaye, Khawutyhutyhe ezizweni zonke zakwaSirayeli, uthabathela kwaDan use eBher-shebha, nibabale abantu, ndilazi inani labantu.
24:3b.2SA.024.003 Wathi uYowabhi kukumkani, Makongeze ke uYehova uThixo wakho ebantwini izihlandlo ezilikhulu, bengangoko bangako, abone namehlo enkosi yam ukumkani; ke yini na ukuba inkosi yam ukumkani iyifune le nto?
24:4b.2SA.024.004 Laqina ilizwi lokumkani kuYowabhi nakubathetheli-mpi. Waphuma ke uYowabhi nabathetheli-mpi phambi kokumkani, baya kubabala abantu bakwaSirayeli.
24:5b.2SA.024.005 Bawela eYordan, bamisa eArohere, ngasekunene komzi ophakathi kwesihlambo sakwaGadi naseYazere;
24:6b.2SA.024.006 baya eGiliyadi nasezweni laseTatim-hodeshe, baya nakwaDan-yahan, bajikelezela kowakwaTsidon;
24:7b.2SA.024.007 baya nasenqabeni yaseTire, nasemizini yonke yamaHivi neyamaKanan; baya baphuma kwelisezantsi lakwaYuda eBher-shebha.
24:8b.2SA.024.008 Balityhutyha ke lonke ilizwe, beza eYerusalem ekupheleni kweenyanga ezisithoba ezineentsuku ezimashumi mabini.
24:9b.2SA.024.009 UYowabhi wamnika ke ukumkani inani lokubalwa kwabantu: aza amaSirayeli aba ngamakhulu asibhozo amawaka amadoda anobukroti, arhola ikrele; amadoda akwaYuda aba ngamakhulu amahlanu amawaka amadoda.
24:10b.2SA.024.010 Yakhathazeka intliziyo kaDavide emveni kokuba ebabalile abantu. Wathi uDavide kuYehova, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise, Yehova, ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze ngobudenge obukhulu.
24:11b.2SA.024.011 Wavuka kusasa uDavide; ilizwi likaYehova lafika kuGadi umprofeti, imboni kaDavide, lisithi,
24:12b.2SA.024.012 Yiya uthethe kuDavide, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikumisela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.
24:13b.2SA.024.013 Waya ke uGadi kuDavide, wamxelela, wathi kuye, Uzelwe sisixhenxe seminyaka yendlala ezweni lakho na? Usabe phambi kweentshaba zakho iinyanga zibe ntathu, zikusukela, kusini na? Kubekho indyikitya yokufa iimini ezintathu ezweni lakho, kusini na? Yazi ngoku, ulenze ilizwi endombuyisela lona ondithumileyo.
24:14b.2SA.024.014 Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene. Masesisiwa esandleni sikaYehova; ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.
24:15b.2SA.024.015 UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli, yathabathela ekuseni yesa kwixa lentlanganiso; kwafa ebantwini, bethabathela kwaDan bese eBher-shebha, amashumi asixhenxe amawaka amadoda.
24:16b.2SA.024.016 Saza isithunywa sesa isandla saso kwiYerusalem, ukuba siyitshabalalise; wazohlwaya uYehova ngenxa yobubi obo, wathi kwisithunywa eso sitshabalalisa abantu, Kwanele; sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova besisesandeni sika-Aravena umYebhusi.
24:17b.2SA.024.017 Wathetha uDavide kuYehova akusibona isithunywa eso sibetha ebantwini, wathi, Uyabona, ndonile mna, ndenze ngobugwenxa mna; umhlambi lo wona wenze ntoni na? Isandla sakho masibe phezu kwam nendlu kabawo.
24:18b.2SA.024.018 Waya ke uGadi kuDavide ngaloo mini, wathi kuye, Nyuka, uye ummisele uYehova isibingelelo esandeni sika-Aravena umYebhusi.
24:19b.2SA.024.019 Wenyuka uDavide ngokwelizwi likaGadi, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako.
24:20b.2SA.024.020 Walunguza uAravena, wambona ukumkani nabakhonzi bakhe besiza kuye. Waphuma uAravena, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni.
24:21b.2SA.024.021 Wathi uAravena, Izelani na inkosi yam ukumkani kumkhonzi wayo? Wathi uDavide, Ndiza kuthenga isanda kuwe, ukuba ndakhele uYehova isibingelelo, sithintelwe isibetho ebantwini.
24:22b.2SA.024.022 Wathi uAravena kuDavide, Mayithabathe inkosi yam ukumkani, inyuse okulungileyo emehlweni ayo. Nanzi iinkomo zedini elinyukayo, neempahla zokubhula needyokhwe zeenkomo zokuba ziinkuni.
24:23b.2SA.024.023 Zonke ezi zinto, kumkani, uAravena uzinika ukumkani. Wathi uAravena kukumkani, UYehova uThixo wakho makakholiswe nguwe.
24:24b.2SA.024.024 Wathi ukumkani kuAravena, Hayi, ndiya kusithenga ngexabiso kuwe; andiyi kunyusa ndise kuYehova uThixo wam amadini anyukayo endiwazuze ngelize. Wasithenga ke uDavide isanda neenkomo ezo ngeeshekele zesilivere ezimashumi mahlanu.
24:25b.2SA.024.025 Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo. Wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe; sathintelwa isibetho kumaSirayeli.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. 2 Samuel (Xhosa). 2 Samuel (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C391-7