Deuteronomy (Xhosa)
1
1:1b.DEU.001.001 Ngawo la ke amazwi, awawathethayo uMoses kumaSirayeli onke phesheya kweYordan entlango, eArabha, malungana noLwandle oluBomvu, phakathi kweParan, neTofele, neLabhan, neHatseroti, neDizahabhi.
1:2b.DEU.001.002 Ziintsuku ezilishumi elinalunye ukusuka eHorebhe ngendlela yentaba yakwaSehire, ukuya eKadeshe-bharneha.
1:3b.DEU.001.003 Ngomnyaka wamashumi omane, ngenyanga yeshumi elinanye, ngolokuqala enyangeni leyo, wathetha uMoses koonyana bakaSirayeli ngako konke uYehova abemwisele umthetho ngako kubo.
1:4b.DEU.001.004 Emveni kokumbulala kwakhe uSihon ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, obemi eAshtaroti nase-Edreyi,
1:5b.DEU.001.005 phesheya kweYordan ezweni lakwaMowabhi, waqala uMoses ukubaqononondisa lo myalelo, esithi:
1:6b.DEU.001.006 UYehova uThixo wethu wathetha kuthi eHorebhe, wathi, Kukade nihleli kule ntaba.
1:7b.DEU.001.007 Jikani ninduluke, niye entabeni yama-Amori, nakubo bonke abamelene nayo, eArabha, ezintabeni, nasesihlanjeni, nakwelasezantsi, nangaselwandle, ezweni lamaKanan, naseLebhanon, nide nise kuwo umlambo omkhulu, umlambo ongumEfrati.
1:8b.DEU.001.008 Khangelani, ndinisikele ilizwe. Ngenani, nakhe kwelo zwe wafungayo uYehova kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wolinika bona, nembewu yabo emva kwabo.
1:9b.DEU.001.009 Ndathi kuni ngelo xesha, Andinakunithwala ndedwa.
1:10b.DEU.001.010 UYehova uThixo wenu unandisile; nanku namhla ningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi kwenu.
1:11b.DEU.001.011 UYehova uThixo wooyihlo makalongeze inani lenu kaliwaka kunoko lingako, anisikelele njengoko wathethayo kuni.
1:12b.DEU.001.012 Ndingathini na ukubuthwala ndedwa ubunzima benu, nomthwalo wenu, nembambano yenu?
1:13b.DEU.001.013 Zikhangeleleni amadoda alumkileyo, aziingqondi, aziwayo, ngokwezizwe zakomawenu, ndiwamise abe ziintloko zenu.
1:14b.DEU.001.014 Nandiphendula nathi, Ilizwi olithethileyo lilungile ukuba silenze.
1:15b.DEU.001.015 Ndabathabatha ke abaziintloko zezizwe zakowenu, amadoda alumkileyo, aziwayo, ndawamisa aba ziintloko phezu kwenu: abathetheli-waka, nabathetheli-makhulu, nabathetheli-mashumi ngamahlanu, nabathetheli-mashumi ngamanye, nabaphathi, ngokwezizwe zakomawenu.
1:16b.DEU.001.016 Ndabawisela umthetho abaphathi benu ngelo xesha, ndathi, Noyilamla into ephakathi kwabazalwana benu, nigwebe ngobulungisa phakathi komntu nomzalwana wakhe, nowasemzini okuye.
1:17b.DEU.001.017 Ize ningakhethi buso ekugwebeni kwenu; ize nimphulaphule omncinane njengomkhulu, ninganxunguphaliswa bubuso bomntu; ngokuba ukugweba oku kokukaYehova. Indawo eninqabeleyo noyizisa kum, ndiyive.
1:18b.DEU.001.018 Ndaniwisela umthetho ngelo xesha ngezinto zonke enozenza.
1:19b.DEU.001.019 Sanduluka eHorebhe, sayihamba yonke laa ntlango inkulu, yoyikekayo nayibonayo, sihamba ngendlela yentaba yama-Amori, njengoko uYehova uThixo wethu wasiyalelayo, sada seza eKadeshe-bharneha.
1:20b.DEU.001.020 Ndathi ke kuni, Nifikile entabeni yama-Amori, awasinikayo uYehova, uThixo wethu.
1:21b.DEU.001.021 Khangela, uYehova uThixo wakho ulinikele kuwe ilizwe elo: nyuka wakhe kulo, njengoko wathethayo uYehova uThixo wooyihlo kuwe. Musa ukoyika, ungakwantyi nokunkwantya.
1:22b.DEU.001.022 Nasondela ke kum nina aba nonke, nathi, Masisuse amadoda, asandulele, asihlolele ilizwe elo, asizisele ilizwi lendlela esonyuka ngayo, nemizi esofika kuyo.
1:23b.DEU.001.023 Lalunga ke elo zwi emehlweni am, ndathabatha kuni amadoda alishumi elinamabini, indoda yanye esizweni.
1:24b.DEU.001.024 Ajika ke, enyuka aya entabeni, ada afika esihlanjeni sakwaEshkoli, asihlola.
1:25b.DEU.001.025 Athabatha isiqhamo selo zwe ngesandla sawo, asiphathela, asizisela ilizwi, athi, Lilizwe elihle asinikayo uYehova uThixo wethu.
1:26b.DEU.001.026 Kanti noko anivumanga kunyuka, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu.
1:27b.DEU.001.027 Nakrokra ezintenteni zenu, nathi, Wasikhupha kuba esithiyile uYehova ezweni laseYiputa, ukuze asinikele esandleni sama-Amori, asitshabalalise.
1:28b.DEU.001.028 Siya kunyukela phi na? Abazalwana bethu bazinyibilikisile iintliziyo zethu, besithi, Abantu bakhulu, bade kunathi; imizi mikhulu, inqatyisiwe yada yesa ezulwini; kananjalo noonyana baka-Anaki sibabone khona.
1:29b.DEU.001.029 Ndathi ke kuni, Ize ningangcangcazeli, ningaboyiki.
1:30b.DEU.001.030 NguYehova uThixo wenu, ohamba phambi kwenu. Yena wonilwela, njengako konke awanenzelayo eYiputa emehlweni enu;
1:31b.DEU.001.031 nasentlango, apho wakubonayo ukukuthwala kukaYehova uThixo wakho, njengomntu ethwele unyana wakhe, ngendlela yonke enahamba ngayo, nada naza kufika kule ndawo.
1:32b.DEU.001.032 Kanti ke nakwelo zwi anikholwanga nguYehova uThixo wenu,
1:33b.DEU.001.033 ohamba phambi kwenu endleleni, ukuba anihlolele indawo yokumisa iintente zenu, ngomlilo ebusuku; anibonise indlela enohamba ngayo, ngelifu emini.
1:34b.DEU.001.034 Waliva uYehova ilizwi lokuthetha kwenu, wanoburhalarhume, wafunga, esithi,
1:35b.DEU.001.035 Akukho ndoda, kula madoda esi sizukulwana singendawo, iya kukha ilibone ilizwe elihle, elo ndafungayo ukuba ndolinika ooyihlo,
1:36b.DEU.001.036 ingenguKalebhi unyana kaYefune; wolibona yena. Ndiya kumnika ilizwe awanyathela phezu kwalo, yena noonyana bakhe, ngenxa enokuba emlandele kwaphela uYehova.
1:37b.DEU.001.037 Kanjalo uYehova wandifuthela nam ngenxa yenu, wathi, Nawe lo akuyi kungena khona.
1:38b.DEU.001.038 UYoshuwa unyana kaNun, oma phambi kwakho, nguye owongena khona; momeleze, ngokuba yena wowadlisa ilifa elo amaSirayeli.
1:39b.DEU.001.039 Ke iintsatshana zenu, enibe nisithi zoba lixhoba, nabantwana benu abangakwaziyo namhla okulungileyo nokubi, bona bongena khona; ndolinika bona beme kulo.
1:40b.DEU.001.040 Ke nina jikani, ninduluke niye entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.
1:41b.DEU.001.041 Naphendula, nathi kum, Sonile kuYehova; sonyuka thina, silwe njengako konke asiyalele ngako uYehova uThixo wethu. Naxhoba ke elowo impahla yakhe yokulwa, nenza buphuthuphuthu ukunyuka intaba.
1:42b.DEU.001.042 Wathi uYehova kum, Yithi kubo, Ize ningenyuki, ize ningalwi; kuba andikhona phakathi kwenu; hleze nigxothwe ziintshaba zenu.
1:43b.DEU.001.043 Ndathetha kuni, anaphulaphula; nawuphikisa umlomo kaYehova, nagxalathelana ukunyuka intaba.
1:44b.DEU.001.044 Aphuma ke ama-Amori ami kuloo ntaba, anihlangabeza, anichitha, axelisa iinyosi, anibetha kwaSehire, ada esa eHorma.
1:45b.DEU.001.045 Nabuya ke nalila phambi koYehova; akaliphulaphula uYehova izwi lenu, akanibekela ndlebe.
1:46b.DEU.001.046 Ngoko ke nahlala eKadeshe imihla emininzi, njengaloo mihla nayihlalayo apho.
2
2:1b.DEU.002.001 Sanduluka, sabheka entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu, njengoko uYehova wathetha kum, sayijikeleza intaba yakwaSehire imihla emininzi.
2:2b.DEU.002.002 Wathetha uYehova kum, wathi,
2:3b.DEU.002.003 Kukade niyijikeleza le ntaba; bhekani ngasentla,
2:4b.DEU.002.004 ubawisele abantu umthetho uthi, Niya kugqitha nje emdeni wabazalwana benu, oonyana bakaEsawu, abemi kwaSehire. Baya kunoyika, ize nizilumkele ke kunene.
2:5b.DEU.002.005 Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime.
2:6b.DEU.002.006 Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele.
2:7b.DEU.002.007 Kuba uYehova, uThixo wakho, ukusikelele emsebenzini wonke wesandla sakho. Uyakwazi ukuyihamba kwakho le ntlango inkulu; le minyaka imashumi mane uYehova uThixo wakho unawe, akuswelanga nto.
2:8b.DEU.002.008 Segqitha ke kubazalwana bethu, oonyana bakaEsawu, abemiyo kwaSehire, saphambuka endleleni yeArabha, e-Elati nase-Etsiyon-gebhere. Sajika ke, sadlula ngendlela yentlango yakwaMowabhi.
2:9b.DEU.002.009 Wathi uYehova kum, Uze ungawabandezeli amaMowabhi, uze ungabambani nawo ulwe nawo; kuba andiyi kukunika nto yelizwe lawo uyihluthe; kuba iAre ndiyinike oonyana bakaLote, ukuba bayime.
2:10b.DEU.002.010 AmaEma ayemi kulo kudala, engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki.
2:11b.DEU.002.011 Bekusithiwa ngamaRafa nawo, njengama-Anaki; ke amaMowabhi athi ngamaEma.
2:12b.DEU.002.012 NakwaSehire bekumi amaHori kudala; koko oonyana bakaEsawu bawagqogqa, bawatshabalalisa ebusweni babo, bahlala esikhundleni sawo, njengoko akwenzayo amaSirayeli ezweni lelifa lawo, abelinikwe nguYehova.
2:13b.DEU.002.013 Ndathi ke, Ndulukani ngoku, niwele umlanjana weZerede; sawuwela ke umlanjana weZerede.
2:14b.DEU.002.014 Imihla yokuhamba kwethu, sisuka eKadeshe-bharneha side siwele umlanjana weZerede, yaba yiminyaka emashumi mathathu anesibhozo; sada saphela sonke eso sizukulwana samadoda okulwa phakathi komkhosi, njengoko uYehova wawafungelayo.
2:15b.DEU.002.015 Saye kananjalo isandla sikaYehova siphezu kwawo, ukuba adutywadutywe phakathi komkhosi ade agqitywe.
2:16b.DEU.002.016 Kwathi, xenikweni onke amadoda okulwa ayegqityiwe, afa phakathi kwabantu,
2:17b.DEU.002.017 wathetha uYehova kum, esithi,
2:18b.DEU.002.018 Namhla uya kugqitha emdeni wakwaMowabhi oyiAre,
2:19b.DEU.002.019 usondele malungana noonyana baka-Amon. Uze ungababandezeli, uze ungabambani nabo; kuba ezweni loonyana baka-Amon andiyi kukunika ndawo yakuma; ngokuba ndilinike oonyana bakaLote ukuba limiwe ngabo.
2:20b.DEU.002.020 Bekusithiwa lilizwe lamaRafa nalo. Bekumi amaRafa khona kudala; ama-Amon athi ngamaZamzum;
2:21b.DEU.002.021 engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki. UYehova wabatshabalalisa ebusweni babo; babagqogqa, bema esikhundleni sabo;
2:22b.DEU.002.022 njengoko wabenzelayo oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire, wawatshabalalisa amaHori ebusweni babo, bawagqogqa, bema esikhundleni sawo unanamhla.
2:23b.DEU.002.023 Nama-Avi ayemi emizaneni, ada esa eGaza; amaKafetori, awaphumayo kwelamaKafetori, awatshabalalisa, ema esikhundleni sawo.
2:24b.DEU.002.024 Sukani ninduluke, niwele umlanjana oyiArnon. Yabona, ndimnikele esandleni sakho uSihon ukumkani waseHeshbhon, umAmori, nelizwe lakhe. Qala ukulihlutha, ubambane naye, ulwe naye.
2:25b.DEU.002.025 Ngale mini ndiya kuqala ukubeka ukunkwantya ngawe nokoyikeka kwakho phezu kwabantu abaphantsi kwezulu lonke, abaya kuluva udaba lwakho bagungqe, bazibhijabhije ngenxa enawe.
2:26b.DEU.002.026 Ndasusa abathunywa entlango yeKedemoti, baya kuSihon ukumkani waseHeshbhon, benamazwi oxolo okuthi, Ndiyeke ndicande ezweni lakho.
2:27b.DEU.002.027 Ndohamba ngendlela le yodwa; andiyi kuthi gu bucala ndiye ekunene nasekhohlo.
2:28b.DEU.002.028 Ukudla wondithengela ngemali ndidle, namanzi wondinika ngemali ndisele, ndihambe nje kodwa ngeenyawo;
2:29b.DEU.002.029 njengoko benza ngako kum oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire, namaMowabhi abemiyo eAre; ndide ndiwele iYordan, ndiye ezweni asinikayo uYehova uThixo wethu.
2:30b.DEU.002.030 Akavuma uSihon ukumkani weHeshbhon, ukuba sicande kuye, ngokuba uYehova uThixo wakho wamqinisa isibindi, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze amnikele esandleni sakho, njengokuba kunjalo namhla.
2:31b.DEU.002.031 Wathi uYehova kum, Yabona, ndiqalile ukumnikela kuwe uSihon nelizwe lakhe; qala ukulihlutha, ulidle ilifa ilizwe lakhe.
2:32b.DEU.002.032 Waphuma ke uSihon wasihlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, eza kulwa eYatsa.
2:33b.DEU.002.033 UYehova uThixo wethu wamnikela kuthi; sambulala, yena noonyana bakhe, nabantu bakhe bonke.
2:34b.DEU.002.034 Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, sawasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana; asasalisa namnye usindayo.
2:35b.DEU.002.035 Ziinkomo zodwa esazithimbelayo, namaxhoba emizi esayithimbayo.
2:36b.DEU.002.036 Sathabathela eArohere, eseludinini lomlanjana oyiArnon, emzini osesihlanjeni, sada sesa eGiliyadi, akwabakho mzi usinqabelayo; konke wakunikela kuthi uYehova uThixo wethu.
2:37b.DEU.002.037 Lilizwe loonyana baka-Amon lodwa, eningasondelanga kulo: lonke icala lomlanjana oyiYabhoki, nemizi yasezintabeni, nento yonke awawisa umthetho ngayo uYehova uThixo wethu.
3
3:1b.DEU.003.001 Sajika, senyuka ngendlela yaseBhashan; waphuma uOgi ukumkani waseBhashan, wasihlangabeza yena nabantu bakhe bonke, ukuba kuliwe e-Edreyi.
3:2b.DEU.003.002 Wathi uYehova kum, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe; uya kwenza kuye njengoko wenza ngako kuSihon ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon.
3:3b.DEU.003.003 UYehova uThixo wethu wamnikela ke ezandleni zethu uOgi ukumkani waseBhashan, nabantu bakhe bonke; sambulala, kwada akwabakho namnye usindayo.
3:4b.DEU.003.004 Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, akwabakho mzi singawuthabathanga kubo; imizi yaba mashumi mathandathu, wonke ummandla waseArgobhi, ubukumkani bukaOgi eBhashan.
3:5b.DEU.003.005 Yonke loo mizi ibinqatyiswe ngodonga oluphakamileyo, namasango, nemivalo; iyodwa imizi yabasemaphandleni, eyabe imininzi kunene.
3:6b.DEU.003.006 Sayisingela phantsi, njengoko senzayo kuSihon ukumkani waseHeshbhon; sasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana.
3:7b.DEU.003.007 Ke zona iinkomo zonke namaxhoba aloo mizi sazithimbela.
3:8b.DEU.003.008 Salithabatha ke ngelo xesha ilizwe esandleni sookumkani bobabini bama-Amori, elingaphonoshono kweYordan, lisusela kumlanjana oyiArnon, lada lesa entabeni yeHermon
3:9b.DEU.003.009 (amaTsidon athi iHermon leyo yiSiriyon, ke ama-Amori athi yiSenire),
3:10b.DEU.003.010 yonke imizi yehewu, neyelaseGiliyadi lonke, neBhashan yonke, kwada kwesa eSaleka ne-Edreyi, imizi yobukumkani bukaOgi eBhashan.
3:11b.DEU.003.011 Ngokuba nguOgi yedwa, ukumkani waseBhashan, impunde eyayisele kumaRafa. Nantso ikoyi yakhe, ikoyi yentsimbi; asiyiyo na leya iseRabha yakoonyana baka-Amon? Iziikubhite ezisithoba ubude bayo, iziikubhite ezine ububanzi bayo, ngokwekubhite yabantu.
3:12b.DEU.003.012 Elo lizwe salihlutha ngelo xesha, sithabathela eArohere ekumlanjana oyiArnon; nesiqingatha sentaba yeGiliyadi, nemizi yayo ndayinika amaRubhen namaGadi.
3:13b.DEU.003.013 Amasalela aseGiliyadi naweBhashan yonke, ubukumkani bukaOgi, ndawanika isiqingatha sesizwe sikaManase; wonke ummandla weArgobhi neBhashan yonke, leyo bekusithiwa lilizwe lamaRafa.
3:14b.DEU.003.014 UYahire, unyana kaManase, wathabatha wonke ummandla weArgobhi, wada wesa emdeni wamaGeshuri namaMahakati, wawubiza ngegama lakhe, wathi iBhashan yiHavoti-yahire, unanamhla.
3:15b.DEU.003.015 UMakire ndamnika elaseGiliyadi.
3:16b.DEU.003.016 AmaRubhen namaGadi ndawanika, ndithabathela kwelaseGiliyadi, ndada ke ndesa kumlanjana oyiArnon, empholokhohlweni wesihlambo, naloo mmandla waso, ndada ndesa naseYabhoki emlanjaneni, emdeni woonyana baka-Amon;
3:17b.DEU.003.017 neArabha, neYordan nommandla wayo, ndithabathela eKinerete, ndada ndesa elwandle lweArabha, uLwandle lweTyuwa, phantsi kwamaxandeka ePisga ngasempumalanga.
3:18b.DEU.003.018 Ndaniwisela umthetho ngelo xesha, ndisithi, UYehova uThixo wenu uninike eli lizwe ukuba nilihluthe. Welani nixhobile phambi kwabazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, nonke nina bafo banobukroti.
3:19b.DEU.003.019 Kodwa abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu (ndiyazi ukuba ninemfuyo eninzi), mabahlale emizini yenu endininike yona;
3:20b.DEU.003.020 ade uYehova abaphumze abazalwana benu njengani, balime nabo ilizwe elo abanika lona uYehova uThixo wenu phesheya kweYordan; nibuyele ke elowo elifeni lakhe endininike lona.
3:21b.DEU.003.021 UYoshuwa ndamwisela umthetho ngelo xesha, ndisithi, Amehlo akho akubonile konke oku akwenzileyo uYehova uThixo wenu kwaba kumkani bobabini; uya kwenjenjalo ke uYehova kwizikumkani zonke owelela kuzo.
3:22b.DEU.003.022 Ize ningaboyiki; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilwelayo.
3:23b.DEU.003.023 Ndatarhuzisa kuYehova ngelo xesha, ndisithi,
3:24b.DEU.003.024 Nkosi yam, Yehova, uqalile ukumbonisa umkhonzi wakho ubukhulu bakho, nesandla sakho esithe nkqi; ngokuba nguwuphi na uthixo emazulwini nasehlabathini, ongenza ngokwezenzo zakho, nangokwemisebenzi yakho yobugorha?
3:25b.DEU.003.025 Makhe ndiwele kaloku, ndilibone ilizwe elo lihle, liphesheya kweYordan, loo ntaba intle, neLebhanon.
3:26b.DEU.003.026 Wandiphuphumela uYehova ngomsindo ngenxa yenu, akandiphulaphula; wathi uYehova kum, Yanela, musa ukuba saphinda uthethe kum ngale ndawo.
3:27b.DEU.003.027 Nyuka uye encotsheni yePisga, uphose amehlo akho entshonalanga, nasentla, nasezantsi, nasempumalanga, ulikhangele ngamehlo; ngokuba akuyi kuyiwela le Yordan.
3:28b.DEU.003.028 UYoshuwa mwisele umthetho, umomeleze, umkhaliphise; ngokuba yena uya kuwela yena phambi kwaba bantu; yena uya kubadlisa ilifa, elilelo lizwe uya kulibona.
3:29b.DEU.003.029 Sahlala ke esihlanjeni malungana neBhete-pehore.
4
4:1b.DEU.004.001 Kaloku ke, Sirayeli, yiphulaphule imimiselo namasiko endinifundisa wona, ukuba niwenze; ukuze niphile, ningene, nilime ilizwe aninikayo uYehova uThixo wooyihlo.
4:2b.DEU.004.002 Ize ningongezi ezwini endiniwisela umthetho ngalo, ize ninganciphisi nto kulo, ukuze niyigcine imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwisela yona.
4:3b.DEU.004.003 Amehlo enu akubonile oko wakwenzayo uYehova kuBhahali-pehore; ngokuba bonke abo babemlandela uBhahali-pehore, uYehova uThixo wakho ubatshabalalisile phakathi kwakho.
4:4b.DEU.004.004 Ke nina nanamathelayo kuYehova uThixo wenu, niphilile nonke namhla.
4:5b.DEU.004.005 Yabonani, ndinifundise imimiselo namasiko, njengoko ndawiselwa umthetho nguYehova uThixo wam, ukuze nenze ngokunjalo phakathi kwelizwe eningena kulo, ukuba nilime.
4:6b.DEU.004.006 Yigcineni ke niyenze; ngokuba oku bubulumko benu, nengqondo yenu, emehlweni abantu abaya kuyiva yonke le mimiselo; bathi, Olu hlanga lukhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo bodwa.
4:7b.DEU.004.007 Ngokuba luluphi na uhlanga olukhulu, oluthixo usondeleyo kulo, njengoYehova uThixo wethu, ekumbizeni kwethu konke?
4:8b.DEU.004.008 Luluphi na uhlanga olukhulu olunemimiselo namasiko anobulungisa, njengalo myalelo wonke ndiwubekayo phambi kwenu namhla?
4:9b.DEU.004.009 Kodwa zigcine, uwugcine umphefumlo wakho kunene, hleze uzilibale izinto azibonileyo amehlo akho; hleze zimke entliziyweni yakho yonke imihla yokuphila kwakho. Uze uzazise oonyana bakho, noonyana boonyana bakho;
4:10b.DEU.004.010 ngokukodwa umhla owema ngawo phambi koYehova uThixo wakho eHorebhe, akuthi uYehova kum, babizele ndawonye kum abantu, ndibavise amazwi am, ukuze bafunde ukundoyika yonke imihla abaphila ngayo emhlabeni, bafundise noonyana babo.
4:11b.DEU.004.011 Nasondela, nema phantsi kwentaba, intaba isitsha ngumlilo wada wesa esazulwini sezulu, ibubumnyama bamafu nesithokothoko.
4:12b.DEU.004.012 Wathetha uYehova kuni ephakathi komlilo; nasiva isandisa mazwi, anabona mbonakalo, yaba sisandi sodwa.
4:13b.DEU.004.013 Wanixelela umnqophiso wakhe, awaniwisela umthetho ngawo ukuba niwenze, amazwi alishumi; wawabhala emacwecweni amabini amatye.
4:14b.DEU.004.014 Wandiwisela umthetho uYehova ngelo xesha, ukuba ndinifundise imimiselo namasiko, ukuba niwenze elizweni eniwelela kulo ukuba nilime.
4:15b.DEU.004.015 Zigcineni kunene ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokuba anibonanga mbonakalo yanto, mini wathetha uYehova kuni eHorebhe phakathi komlilo;
4:16b.DEU.004.016 hleze nizonakalise, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento efana nokuba yiyiphi: into emilise okwendoda nokwenkazana,
4:17b.DEU.004.017 into emilise okwento yonke ezitho zine esemhlabeni, into emilise okwentaka yonke enamaphiko, ephaphazela esibhakabhakeni,
4:18b.DEU.004.018 into emilise okwesinambuzane sonke esisemhlabeni, into emilise okweentlanzi zonke ezisemanzini phantsi komhlaba;
4:19b.DEU.004.019 hleze uwaphakamisele ezulwini amehlo akho, ubone ilanga nenyanga neenkwenkwezi, wonke umkhosi wasezulwini, uwexulwe, uzinqule, uzikhonze, ezo uYehova uThixo wakho azabele izizwe zonke phantsi kwezulu lonke.
4:20b.DEU.004.020 Ke nina unithabathile uYehova, wanikhupha kwiziko lesinyithi eYiputa, ukuba nibe ngabantu abalilifa kuye, njengoko ninjalo namhla.
4:21b.DEU.004.021 Phezu koko uYehova wandifuthela ngenxa yamazwi enu, wafunga ukuba andiyi kuyiwela iYordan, andiyi kungena ezweni elihle akunikayo uYehova uThixo wakho, ukuba libe lilifa;
4:22b.DEU.004.022 kuba ndiya kufela kweli lizwe, andiyiweli iYordan. Ke nina niya kuwela, nilime elo lizwe lihle.
4:23b.DEU.004.023 Zigcineni, hleze niwulibale umnqophiso kaYehova uThixo wenu, awawenzayo nani, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yezinto zonke awakuwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wakho.
4:24b.DEU.004.024 Ngokuba uYehova uThixo wakho ungumlilo odlayo, unguThixo onekhwele.
4:25b.DEU.004.025 Xa uthe wazala abantwana nabantwana babantwana, kwada kwaba kudala nihleli kwelo zwe, nazonakalisa, nenza umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento nokuba yiyiphi, nenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wenu, namqumbisa:
4:26b.DEU.004.026 ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani, ukuba nodaka mpela kamsinya, ningabikho kwelo zwe, niwela iYordan nisiya kulo ukuba nilime; anisayi kuyolula imihla yenu kulo, notshabalala kube kanye.
4:27b.DEU.004.027 Woniphangalalisa uYehova phakathi kwezizwe, nisale nibantu bambalwa ezintlangeni, apho uYehova aya kuni qhubela khona;
4:28b.DEU.004.028 nikhonze khona oothixo abangumsebenzi wezandla zomntu, imithi namatye, abangaboniyo, abangeviyo, abangadliyo, abangajojiyo;
4:29b.DEU.004.029 eningathi nimfune khona uYehova uThixo wenu, nimfumane, xa nithe naquqela kuye ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.
4:30b.DEU.004.030 Ekubandezelekeni kwenu, zakunifumana zonke ezi zinto, ekupheleleni kwemihla, nobuyela kuYehova uThixo wenu, niliphulaphule ilizwi lakhe.
4:31b.DEU.004.031 Ngokuba nguThixo onemfesane uYehova uThixo wakho; akayi kukuyekela, akayi kukonakalisa, akayi kuwulibala umnqophiso wooyihlo awabafungelayo.
4:32b.DEU.004.032 Kuba khawubuze emihleni yamandulo, eyayikho ngaphambi kwakho, kususela kumhla uThixo awadala ngawo umntu ehlabathini, uthabathele esiphelweni sezulu, ude use esiphelweni sezulu, ukuba khe kwakho na into enjengale nto ukuba nkulu, ukuba khe kwaviwa into enjengale na?
4:33b.DEU.004.033 Bakha baliva na abantu izwi loThixo ethetha phakathi komlilo, njengoko walivayo wena, baphila noko?
4:34b.DEU.004.034 Okanye kukho thixo wakha walinga na ukuya kuzithabathela uhlanga phakathi kohlanga ngezilingo, nangemiqondiso, nangezimanga, nangemfazwe, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangokoyikeka okukhulu, njengako konke akwenzileyo kuni uYehova uThixo wenu eYiputa, emehlweni akho?
4:35b.DEU.004.035 Waboniswa wena, ukuze wazi ukuba uYehova nguye uThixo; akukho wumbi, nguye yedwa.
4:36b.DEU.004.036 Wakuvisa izwi lakhe liphuma emazulwini, ukuba akuqeqeshe, nasemhlabeni wakubonisa umlilo wakhe omkhulu, waweva namazwi akhe phakathi komlilo.
4:37b.DEU.004.037 Wabathandayo nje ooyihlo, wayinyula nembewu yabo emva kwabo, wakukhupha eYiputa ngobukho bakhe, ngamandla akhe amakhulu;
4:38b.DEU.004.038 ukuba agqogqe iintlanga ezinkulu ezomeleleyo kunawe, zingabikho ebusweni bakho; ukuba akungenise, akunike ilizwe lazo libe lilifa, njengoko kunjalo namhla.
4:39b.DEU.004.039 Yazi ke namhla, ukunyamekele ngentliziyo yakho, ukuba uYehova nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi; akukho wumbi;
4:40b.DEU.004.040 uyigcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, endikumisela yona namhla, ukuba kulunge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, ukuze uyolule imihla yakho emhlabeni, lowo akunika wona uYehova uThixo wakho imihla yonke.
4:41b.DEU.004.041 Waza uMoses wahlula imizi yamithathu ngaphonoshono kweYordan ngasempumalanga, ukuba asabele khona umbulali
4:42b.DEU.004.042 obulele ummelwane wakhe ngengozi, ebengamthiyile ngaphambili; asabele ke komnye waloo mizi, aphile:
4:43b.DEU.004.043 iBhetsere, entlango ezweni lehewu kumaRubhen; iRamoti, kwelaseGiliyadi kumaGadi; iGolan, eBhashan kumaManase.
4:44b.DEU.004.044 Nguwo lo umyalelo awawubekayo uMoses phambi koonyana bakaSirayeli.
4:45b.DEU.004.045 Zizo ezi izingqino nemimiselo namasiko awawathethayo uMoses koonyana bakaSirayeli, ekuphumeni kwabo eYiputa,
4:46b.DEU.004.046 ngaphonoshono kweYordan, emfuleni omalunga neBhete-pehore, ezweni lakwaSihon, ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon, abambulalayo ooMoses noonyana bakaSirayeli ekuphumeni kwabo eYiputa;
4:47b.DEU.004.047 balihlutha ilizwe lakhe, nelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan, ookumkani ababini bama-Amori ababengaphonoshono kweYordan ngasempumalanga;
4:48b.DEU.004.048 bathabathela eArohere, engaseludinini lomlanjana oyiArnon, bada besa entabeni yeSiyon eyiHermon,
4:49b.DEU.004.049 neArabha yonke ngaphonoshono kweYordan ngasempumalanga, bada besa elwandle lwaseArabha, ngapha ntsi kwamaxandeka asePisga.
5
5:1b.DEU.005.001 Wawabiza uMoses amaSirayeli onke, wathi kuwo, Yivani, maSirayeli, imimiselo namasiko endiwathethayo ezindlebeni zenu namhla, ukuze niwafunde, nigcine ukuwenza.
5:2b.DEU.005.002 UYehova uThixo wethu wenza umnqophiso nathi eHorebhe.
5:3b.DEU.005.003 UYehova akawenzanga noobawo bethu lomnqophiso; wawenza nathi aba sikhoyo sonke siphela, siphilile namhlanje.
5:4b.DEU.005.004 UYehova wathetha kuni, ekhangelene nani entabeni phakathi komlilo.
5:5b.DEU.005.005 Ndema phakathi koYehova nani ngelo xesha, ukuze ndinixelele ilizwi likaYehova; ngokuba nibe nisoyika umlilo, ananyuka niye entabeni. Wathi:
5:6b.DEU.005.006 NdinguYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
5:7b.DEU.005.007 Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
5:8b.DEU.005.008 Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.
5:9b.DEU.005.009 Uze ungazinquli ezo nto, uze ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana nakwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;
5:10b.DEU.005.010 ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
5:11b.DEU.005.011 Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho, kuba uYehova akayikumenza omsulwa, ofumana alibize igama lakhe.
5:12b.DEU.005.012 Gcina umhla wesabatha, ukuba wungcwalise, njengoko wakuwisela umthetho uYehova uThixo wakho.
5:13b.DEU.005.013 Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;
5:14b.DEU.005.014 ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, ne-esile lakho, neento zakho zonke ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho, ukuze siphumle isicaka sakho nesicakakazi sakho, njengawe;
5:15b.DEU.005.015 ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhupha khona uYehova uThixo wakho ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo; ngenxa yoko ukuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuba uwugcine umhla wesabatha.
5:16b.DEU.005.016 Beka uyihlo nonyoko, njengoko akuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuze yolulwe imihla yakho, nokuze kulunge kuwe emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
5:17b.DEU.005.017 Uze ungabulali.
5:18b.DEU.005.018 Uze ungakrexezi.
5:19b.DEU.005.019 Uze ungebi.
5:20b.DEU.005.020 Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.
5:21b.DEU.005.021 Uze unganqweneli umfazi wommelwane wakho; uze unganqweneli indlu yommelwane wakho, nentsimi yakhe, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.
5:22b.DEU.005.022 Loo mazwi wawathetha uYehova ebandleni lenu lonke entabeni leyo, phakathi komlilo, efini asesithokothokweni, ngezwi elikhulu, akongeza; wawabhala emacwecweni amatye amabini, wawanika mna.
5:23b.DEU.005.023 Kwathi, nakuliva ilizwi phakathi kobumnyama, intaba isitsha ngumlilo, nasondela kum, zonke iintloko zezizwe zakowenu, namadoda amakhulu akowenu;
5:24b.DEU.005.024 nathi, Yabona, uYehova uThixo wethu usibonisile ubuqaqawuli bakhe nobukhulu bakhe, nelizwi lakhe silivile phakathi komlilo. Namhla sibonile ukuba uYehova nomntu, aphile noko.
5:25b.DEU.005.025 Ngoko yini na ukuba sife? Ngokuba lo mlilomkulu uya kusidla; ukuba sithe saphinda saliva ilizwi likaYehova uThixo wethu, sofa.
5:26b.DEU.005.026 Kuba ngubani na enyameni yonke, owakha waliva ilizwi likaThixo ohleliyo, ethetha phakathi komlilo, njengathi, waphila noko?
5:27b.DEU.005.027 Sondela wena, uve konke okuthethwa nguYehova uThixo wethu, ukuthethe wena kuthi; konke aya kukuthetha uYehova uThixo wethu kuwe, sokuva sikwenze.
5:28b.DEU.005.028 Waliva ke uYehova izwi lokuthetha kwenu ekuthetheni kwenu kum; wathi uYehova kum, Ndilivile izwi lokuthetha kwaba bantu abakuthethileyo kuwe; bakulungisile konke abakuthethileyo.
5:29b.DEU.005.029 Akwaba bebenale ntliziyo yokundoyika, nokuyigcina imithetho yam yonke, imihla yonke, ukuze kulunge kubo noonyana babo ngonaphakade!
5:30b.DEU.005.030 Yiya, uthi kubo, Buyelani ezintenteni zenu.
5:31b.DEU.005.031 Ke wena, yima apha ngakum, ndiyithethe kuwe yonke imithetho nemimiselo namasiko, owobafundisa wona, bawenze ezweni elo ndibanika lona, ukuba balime.
5:32b.DEU.005.032 Nize nizigcine ukuba nenze njengoko uYehova uThixo wenu waniwisela umthetho, ningatyekeli ekunene nasekhohlo.
5:33b.DEU.005.033 Hambani ngeendlela zonke awaniwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wenu, ukuze niphile; kulunge kuni, niyolule imihla ezweni eloniya kulima.
6
6:1b.DEU.006.001 Nguwo lo umthetho, imimiselo ke kwanamasiko, awaniwiselayo uYehova uThixo wenu, ukuba niwufundiswe, niwenze ezweni elo niwelela kulo ukuba nilime;
6:2b.DEU.006.002 ukuze umoyike uYehova uThixo wakho, uyigcine yonke imimiselo yakhe nemithetho yakhe endikuwiselayo, wena nonyana wakho, nonyana wonyana wakho, yonke imihla yobomi bakho, ukuze yolulwe imihla yakho.
6:3b.DEU.006.003 Yiva ke, Sirayeli, ugcine ukwenza, ukuze kulunge kuwe, ukuze nande kunene ezweni elibaleka amasi nobusi, njengokuba uYehova, uThixo wooyihlo, akuthethileyo kuwe.
6:4b.DEU.006.004 Yiva, Sirayeli: uYehova uThixo wethu nguYehova mnye.
6:5b.DEU.006.005 Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, nangamandla akho onke.
6:6b.DEU.006.006 La mazwi ndikuwisela umthetho ngawo namhlanje, aze abe sentliziyweni yakho.
6:7b.DEU.006.007 Uze uwatsolise koonyana bakho, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho;
6:8b.DEU.006.008 uwabophe esandleni sakho abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo akho;
6:9b.DEU.006.009 uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho.
6:10b.DEU.006.010 Kothi, xa athe wakungenisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe abelifungele ooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba akunike: imizi emikhulu, emihle, ongayakhanga;
6:11b.DEU.006.011 nezindlu ezizele zizinto zonke ezintle, ongazizalisanga; namaqula ambiweyo, ongawambanga; nezidiliya nezinquma, ongazityalanga; wadla wahlutha:
6:12b.DEU.006.012 uzigcine, hleze umlibale uYehova okukhuphileyo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
6:13b.DEU.006.013 UYehova uThixo wakho uze umoyike, umkhonze, ufunge igama lakhe.
6:14b.DEU.006.014 Nize ningalandeli thixo bambi koothixo bezizwe eziningqongileyo;
6:15b.DEU.006.015 ngokuba nguThixo onekhwele, uYehova uThixo wakho phakathi kwakho; hleze umsindo kaYehova uThixo wakho uvuthe ngakuwe, ukutshabalalise, ungabikho ehlabathini.
6:16b.DEU.006.016 Nize ningamlingi uYehova uThixo wenu, njengoko namlingayo eMasa.
6:17b.DEU.006.017 Nize niyigcine niyigcinile imithetho kaYehova uThixo wenu, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, awakuwiselayo; wenze okuthe tye,
6:18b.DEU.006.018 okulungileyo emehlweni kaYehova; ukuze kulunge kuwe, ungene ulime ilizwe elihle, awalifungela ooyihlo uYehova,
6:19b.DEU.006.019 ukuba azigxothe iintshaba zakho zonke ebusweni bakho, njengoko wathethayo uYehova.
6:20b.DEU.006.020 Xa athe unyana wakho wakubuza ngomso, esithi, Zezani na ezi zingqino nemimiselo namasiko, aniwiseleyo uYehova uThixo wethu?
6:21b.DEU.006.021 wothi kunyana wakho, Sibe singamakhoboka kaFaro eYiputa; wasikhupha uYehova eYiputa ngesandla esithe nkqi;
6:22b.DEU.006.022 uYehova wenza eYiputa imiqondiso nezimanga ezikhulu, ezibi, kuFaro, nasendlwini yakhe yonke, emehlweni ethu;
6:23b.DEU.006.023 wasikhupha khona, ukuze asingenise, ukuba asinike ilizwe elo abelifungele oobawo.
6:24b.DEU.006.024 Wasiwisela umthetho uYehova, ukuba siyenze le mimiselo yonke, ukuba simoyike uYehova uThixo wethu, kulunge kuthi yonke imihla, silondolozelwe ebomini, njengoko kunjalo namhla.
6:25b.DEU.006.025 Koba bubulungisa kuthi, xa sithe sagcina ukuwenza wonke lo mthetho phambi koYehova uThixo wethu, njengoko wasiwiselayo umthetho.
7
7:1b.DEU.007.001 Xa athe uYehova uThixo wakho wakungenisa kulo ilizwe, oya kulo ukuba ulime, wanyothula iintlanga ezininzi ebusweni bakho, amaHeti, namaGirgashi, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, iintlanga ezisixhenxe, zizininzi, zinamandla kunawe,
7:2b.DEU.007.002 wazinikela kuwe uYehova uThixo wakho: uze uzixabele, uzisingele phantsi kuphele; ungenzi mnqophiso nazo, ungazisizeli.
7:3b.DEU.007.003 Uze ungendiselani nazo, intombi yakho ungayiniki unyana wakhe, intombi yakhe ungayizekeli unyana wakho;
7:4b.DEU.007.004 kuba yomtyekisa unyana wakho angandilandeli, bakhonze thixo bambi, uvuthe umsindo kaYehova kuni, akutshabalalise kamsinya.
7:5b.DEU.007.005 Ke yenjani nje kuzo: zidilizeni izibingelelo zazo, nizichithe izimiso zazo, nibaxakaxe ooAshera bazo, niyitshise ngomlilo imifanekiso yazo eqingqiweyo.
7:6b.DEU.007.006 Ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wakho; uninyule uYehova uThixo wakho, ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, kunabantu bonke abaphezu komhlaba.
7:7b.DEU.007.007 Akungabuninzi benu kunezinye izizwe zonke, le nto athene nca nani uYehova, waninyula; kuba nimbalwa kunezinye izizwe zonke.
7:8b.DEU.007.008 Kungokunithanda kukaYehova, kungokusigcina kwakhe isifungo abesifungele ooyihlo, le nto anikhuphe ngesandla esithe nkqi uYehova, wanikhulula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka, esandleni sikaFaro, ukumkani waseYiputa.
7:9b.DEU.007.009 Yazi ke, ukuba uYehova uThixo wakho nguye uThixo, uThixo wenyaniso, obagcinela umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe, ase ewakeni lesizukulwana;
7:10b.DEU.007.010 obabuyekezayo abamthiyayo ebusweni babo, ukuba abashabalalise. Akalibali ukumbuyekeza omthiyayo; uya kumbuyekeza ebusweni bakhe.
7:11b.DEU.007.011 Wugcine ke umthetho, nemimiselo, namasiko, endikuwisela wona namhla, ukuba uwenze.
7:12b.DEU.007.012 Kothi ke ngenxa enokuba nithe naweva la mabango, nawagcina, nawenza, akugcinele umnqophiso nenceba uYehova uThixo wakho, awawufunga kooyihlo;
7:13b.DEU.007.013 akuthande, akusikelele, akwandise, asikelele nesiqhamo sesizalo sakho, neziqhamo zomhlaba wakho, ingqolowa yakho, newayini yakho entsha, neoli yakho, nenkonyana yenkomo yakho, netakane lempahla yakho emfutshane, emhlabeni lowo wawufungela ooyihlo ukuba wokunika.
7:14b.DEU.007.014 Wosikeleleka ngaphezu kwezizwe zonke; akusayi kubakho nto ingazaliyo, nokuba yindoda nokuba ngumfazi kuwe; nasezinkomeni zakho ayisayi kubakho.
7:15b.DEU.007.015 UYehova wosusa zonke izifo kuwe; nobulwelwe bonke obubi baseYiputa, obo ubaziyo, akayi kububeka kuwe; uya kububeka kubo bonke abakuthiyayo.
7:16b.DEU.007.016 Uze uzidle zonke izizwe ezo akunikayo uYehova uThixo wakho; iliso lakho lingabi nanceba kuzo, ungabakhonzi oothixo bazo; ngokuba ngumgibe lowo kuwe.
7:17b.DEU.007.017 Xa uthe entliziyweni yakho, Ezi ntlanga zininzi kunam, ndinokuthini na ukuzigqogqa?
7:18b.DEU.007.018 uze ungazoyiki. Khumbula kakuhle awakwenzayo uYehova uThixo wakho kuFaro nakumaYiputa onke;
7:19b.DEU.007.019 izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, nemiqondiso, nezimanga, nesandla esithe nkqi, nengalo eyolukileyo, awakukhupha ngazo uYehova uThixo wakho. Uya kwenjenjalo uYehova uThixo wakho kuzo zonke izizwe ozoyikayo.
7:20b.DEU.007.020 Ngaphezu koko, uYehova uThixo wakho uya kuthuma oonomeva kuzo, zide ezo ziselayo, zizisithelisayo ebusweni bakho, zibhubhe.
7:21b.DEU.007.021 Uze ungangcangcazeli ebusweni bazo; ngokuba uYehova uThixo wakho phakathi kwakho nguThixo omkhulu, owoyikekayo.
7:22b.DEU.007.022 UYehova uThixo wakho uya kuzinyothula ezi ntlanga ebusweni bakho, kancinane, kancinane. Akuyi kuba nako ukuziphelisa kamsinya, hleze ande akongamele amarhamncwa asendle.
7:23b.DEU.007.023 UYehova uThixo wakho wozinikela kuwe. azidungadunge ngodungadungo olukhulu, zide zitshatyalaliswe;
7:24b.DEU.007.024 abanikele ookumkani bazo esandleni sakho, ulicime igama labo phantsi kwezulu. Akuyi kuma mntu ebusweni bakho, ude uzitshabalalise zona.
7:25b.DEU.007.025 Imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bazo woyitshisa ngomlilo; uze ungayinqweneli isilivere negolide ekuzo, ungayithabatheli kuwe, ibe ngumgibe; ngokuba lisikizi kuYehova uThixo wakho.
7:26b.DEU.007.026 Uze ungalingenisi isikizi endlwini yakho, ukuze ungabi yinto yokusingelwa phantsi njengalo. Ize ibe nezothe, ibe linyala kuwe, ibe lisikizi kuwe, ngokuba yinto yokusingelwa phantsi.
8
8:1b.DEU.008.001 Wonke umthetho endikuwiselayo namhla, ize nizigcine ngokwenu ukuba niwenze, ukuze niphile, nande, ningene nilime ilizwe elo walifungela ooyihlo uYehova.
8:2b.DEU.008.002 Uze uyikhumbule yonke indlela akuhambise ngayo uYehova uThixo wakho, le minyaka imashumi mane entlango, ukuze akuthobe, akulinge, akwazi okusentliziyweni yakho, ukuba woyigcina imithetho yakhe, akuyi kuyigcina, kusini na.
8:3b.DEU.008.003 Wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana, into obungayazi, ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu; umntu lo yena uphila ngento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.
8:4b.DEU.008.004 Ingubo yakho ayonakalanga bubudala ikushiye, nonyawo lwakho aludumbanga, le minyaka imashumi mane.
8:5b.DEU.008.005 Uze wazi ngentliziyo yakho, ukuba njengoko umntu amqeqeshayo unyana wakhe, uYehova uThixo wakho uyakuqeqesha wena;
8:6b.DEU.008.006 uyigcine ke imithetho kaYehova uThixo wakho, ukuba uhambe ngeendlela zakhe, umoyike.
8:7b.DEU.008.007 Kuba uYehova uThixo wakho ukungenisa ezweni elihle; ezweni lemilanjana yamanzi, lemithombo namanzi enzonzobila, aphuma ezihlanjeni nasezintabeni;
8:8b.DEU.008.008 ezweni lengqolowa, nerhasi, neediliya, nemikhiwane, neerharnate; ezweni leminquma yeoli, nobusi;
8:9b.DEU.008.009 ezweni ongayi kudla sonka kulo uyimbedlenge, ongayi kuswela nanye into kulo; ezweni elimatye asinyithi, elintaba womba ubhedu kuzo;
8:10b.DEU.008.010 udle, uhluthe, umbonge uYehova uThixo wakho ngenxa yelizwe elihle akunike lona.
8:11b.DEU.008.011 Zigcine, hleze umlibale uYehova uThixo wakho ngokungayigcini imithetho yakhe, namasiko akhe, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla;
8:12b.DEU.008.012 hleze uthi, wakudla uhluthe, wakhe izindlu ezintle, uhlale kuzo;
8:13b.DEU.008.013 zande iinkomo zakho, nempahla yakho emfutshane, yande kuwe isilivere negolide, yande yonke into onayo:
8:14b.DEU.008.014 isuke iphakame intliziyo yakho, umlibale uYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;
8:15b.DEU.008.015 owakuhambisayo entlango enkulu eyoyikekayo, eneenyoka ezinobuhlungu, noonomadudwane, nebalelelwe lilanga, engenamanzi; owakuvelisela amanzi eweni leqhwitha;
8:16b.DEU.008.016 owakudlisa imana entlango, into ababengayazi ooyihlo, ukuze akuthobe, akulinge, ukuba akwenzele okulungileyo ekupheleni kwakho;
8:17b.DEU.008.017 uze uthi ke entliziyweni yakho, Ngamandla am nokuqina kwesandla sam okundizuzise obu butyebi.
8:18b.DEU.008.018 Uze umkhumbule uYehova uThixo wakho, ngokuba nguye okunika amandla okuzuza ubutyebi; ukuze awumise umnqophiso wakhe abewufungele ooyihlo, njengoko kunjalo namhla.
8:19b.DEU.008.019 Kothi, ukuba uthe wamlibala uYehova uThixo wakho, walandela thixo bambi, wabakhonza, wabanqula, ndiyaningqinela namhla, ukuba nobhubha kanye.
8:20b.DEU.008.020 Njengeentlanga uYehova azenze zadaka ebusweni benu, nodaka ngokunjalo, ngenxa enokuba ningaliphulaphulanga izwi likaYehova uThixo wenu.
9
9:1b.DEU.009.001 Yiva, Sirayeli! Uyayiwela namhla iYordan, usiya kuzihlutha iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunawe, imizi emikhulu, enqatyiswe yesa ezulwini;
9:2b.DEU.009.002 abantu abakhulu, abade, oonyana baka-Anaki, obaziyo wena, obavileyo wena kusithiwa ngabo, Ngubani na onokuma phambi koonyana baka-Anaki?
9:3b.DEU.009.003 Yazi ke namhla, ukuba uYehova uThixo wakho nguye owela phambi kwakho, engumlilo odlayo. Wobatshabalalisa, wobathoba phambi kwakho; ubagqogqe, ubacime kamsinya, njengoko wathethayo kuwe uYehova.
9:4b.DEU.009.004 Uze ungatsho entliziyweni yakho ekubagxotheni kukaYehova uThixo wakho ebusweni bakho, ukuthi, Kungobulungisa bam andingenisileyo uYehova, ukuba ndilime eli lizwe. Kungokungabi ndawo kwezo ntlanga, le nto uYehova azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.
9:5b.DEU.009.005 Akungabulungisa bakho, nokuthi tye kwentliziyo yakho, le nto ungenayo ulime ilizwe lazo: kuba kungokungabi ndawo kwezo ntlanga, le nto uYehova, uThixo wakho, azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho, ukuze alimise ilizwi elo uYehova abelifungele ooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi.
9:6b.DEU.009.006 Yazi ke, ukuba akungabulungisa bakho, le nto uYehova, uThixo wakho, akunikayo eli lizwe lihle ukuba ulime; ngokuba ningabantu abantamo ilukhuni.
9:7b.DEU.009.007 Khumbula, musa ukulibala ukumqumbisa kwakho uYehova, uThixo wakho, entlango; kususela kwimini owaphumayo ezweni laseYiputa, wada wangena kule ndawo, naba neenkani kuYehova.
9:8b.DEU.009.008 NaseHorebhe namqumbisa uYehova, wanifuthela uYehova ukuba anitshabalalise.
9:9b.DEU.009.009 Oko ndandinyuke ndaya entabeni ukuya kuthabatha amacwecwe amatye, amacwecwe omnqophiso abewenza uYehova nani, ndahlala iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane entabeni, ndingadli sonka, ndingaseli manzi.
9:10b.DEU.009.010 Wandinika uYehova amacwecwe amabini amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo, kubhalwe kuwo ngokwamazwi onke abewathethile uYehova nani entabeni, phakathi komlilo ngomhla wesikhungu.
9:11b.DEU.009.011 Kwathi, ekupheleni kweemini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, uYehova wandinika amacwecwe amabini amatye, amacwecwe omnqophiso.
9:12b.DEU.009.012 Wathi uYehova kum, Suka uhle apha kamsinya; ngokuba bonakalisile abantu bakho obakhuphileyo eYiputa; batyeka kamsinya endleleni leyo ndibawisele umthetho ngayo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo.
9:13b.DEU.009.013 Wathi uYehova kum, Ndibabonile aba bantu; yabona, ngabantu abantamo ilukhuni;
9:14b.DEU.009.014 ndiyeke, ndibatshabalalise, ndilicime igama labo phantsi kwamazulu, ndikwenze wena uhlanga olunamandla, oluninzi kunabo.
9:15b.DEU.009.015 Ndajika ke ndehla entabeni, intaba isitsha ngumlilo, amacwecwe omabini omnqophiso esezandleni zam zozibini.
9:16b.DEU.009.016 Ndakhangela, ndabona ukuba nonile kuYehova uThixo wenu, nazenzela ithole elingumtyhido, natyeka kamsinya endleleni leyo waniwisela umthetho ngayo uYehova.
9:17b.DEU.009.017 Ndawathabatha amacwecwe omabini, ndawalahla ezandleni zam zozibini, ndawaqhekeza emehlweni enu.
9:18b.DEU.009.018 Ndawa phantsi phambi koYehova, njengokokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; ndingadli sonka, ndingaseli manzi, ngenxa yezono zenu zonke, enone ngazo ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba nimqumbise;
9:19b.DEU.009.019 kuba bendinxunguphele ngumsindo nobushushu abenoburhalarhume ngabo uYehova kuni, ukuba anitshabalalise. Ke uYehova wandiva nangeso silulandlo.
9:20b.DEU.009.020 UYehova wamfuthela kunene uAron, ukuba amtshabalalise; ndamthandazela noAron lowo ngelo xesha.
9:21b.DEU.009.021 Isono senu enisenzileyo, ithole elo, ndalithabatha ndalitshisa ngomlilo, ndaliqoba, ndalisila ngokucokisekileyo, lada lacoleka laluthuli, ndaluphosa uthuli lwalo emlanjaneni obusihla entabeni.
9:22b.DEU.009.022 NaseTabhera, naseMasa, naseKibroti-hatahava, nibe nimqumbisa uYehova.
9:23b.DEU.009.023 Nasekunisuseni kukaYehova eKadeshe-bharneha, esithi, Nyukani, nilime ilizwe elo ndininikileyo, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu, anakholwa nguye, analiphulaphula izwi lakhe.
9:24b.DEU.009.024 Naba neenkani kuYehova, kususela kwimini endanazi ngayo.
9:25b.DEU.009.025 Ndawa ke phantsi phambi koYehova, ezo mini zimashumi mane nobusuku obumashumi mane, endawayo phantsi; kuba uYehova wathi uya kunitshabalalisa.
9:26b.DEU.009.026 Ndathandaza ke kuYehova, ndathi, Nkosi yam, Yehova, musa ukubatshabalalisa abantu bakho, ilifa lakho, obakhululeyo ngobukhulu bakho, obakhuphileyo eYiputa ngesandla esithe nkqi.
9:27b.DEU.009.027 Khumbula abakhonzi bakho, ooAbraham noIsake noYakobi. Musa ukukhangela ekugogotyeni kwaba bantu, nakokungendawo kwabo, nasesonweni sabo; hleze lithi ilizwe osikhuphe kulo,
9:28b.DEU.009.028 Kungokuba ebengenako uYehova ukubangenisa kulo ilizwe abethethe ngalo kubo; kungokuba ebebathiya, le nto wakhuphayo, ukuze ababulalele entlango.
9:29b.DEU.009.029 Ke ngabantu bakho nelifa lakho, obakhuphileyo ngamandla akho amakhulu, nangengalo yakho eyolukileyo.
10
10:1b.DEU.010.001 Ngelo xesha wathi uYehova kum, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, unyuke uze kum entabeni, uzenzele ityeya yomthi;
10:2b.DEU.010.002 ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abekwawokuqala amacwecwe, lawo wawaqhekezayo; uwabeke etyeyeni.
10:3b.DEU.010.003 Ndenza ke ityeya ngomngampunzi, ndaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala; ndenyuka ndaya entabeni, ndinawo amacwecwe amabini esandleni sam.
10:4b.DEU.010.004 Wawabhala ke emacwecweni ngokombhalo wokuqala amazwi alishumi, abewathethile uYehova kuni entabeni, phakathi komlilo, ngomhla wesikhungu; uYehova wandinika wona.
10:5b.DEU.010.005 Ndajika ke, ndehla entabeni, ndawabeka amacwecwe etyeyeni endayenzayo. Akhona, njengoko uYehova wandiwisela umthetho ngako.
10:6b.DEU.010.006 Banduluka oonyana bakaSirayeli eBheroti-bhene-yahakan, baya eMosera. Wafa apho uAron, wangcwatyelwa khona; uElazare unyana wakhe waba ngumbingeleli esikhundleni sakhe.
10:7b.DEU.010.007 Banduluka khona, baya eGudegoda; banduluka eGudegoda, baya eYotebhata, ilizwe elinemilanjana yamanzi.
10:8b.DEU.010.008 Ngelo xesha uYehova wasahlula isizwe sakwaLevi, ukuba sithwale ityeya yomnqophiso kaYehova, nokuba sime phambi koYehova silungiselele, sisikelele egameni lakhe unanamhla.
10:9b.DEU.010.009 Ngenxa yoko uLevi akanasabelo nalifa ndawonye nabazalwana bakhe; nguYehova ilifa lakhe, njengoko wathethayo uYehova uThixo wakho kuye.
10:10b.DEU.010.010 Ndema ke mna entabeni, njengemihla yokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; wandiva uYehova nangeso sihlandlo; uYehova akathanda ukukonakalisa.
10:11b.DEU.010.011 Wathi uYehova kum, Suka ume, uhambe phambi kwabantu, bangene balime ilizwe elo, ndafungayo kooyise ukuba ndobanika.
10:12b.DEU.010.012 Kaloku ke, Sirayeli, uYehova uThixo wakho ubiza ntoni na kuwe, kungekuko ukumoyika uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke, umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke;
10:13b.DEU.010.013 ugcine imithetho kaYehova, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla ukuba kulunge kuwe?
10:14b.DEU.010.014 Yabona lelikaYehova uThixo wakho izulu, nezulu lamazulu, nehlabathi, neento zonke ezikhona.
10:15b.DEU.010.015 UYehova wathana nca nooyihlo bodwa, ukuba abathande; wanyula imbewu yabo emva kwabo, nina ke, ngaphezu kwezizwe zonke, njengoko kunjalo namhla.
10:16b.DEU.010.016 Yalusani ke inyama yentliziyo yenu, ningabi saba ngabantamo ilukhuni.
10:17b.DEU.010.017 Kuba uYehova uThixo wenu nguThixo woothixo yena, nguNkosi kankosi, nguThixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ongakhethi buso, ongamkeli sicengo;
10:18b.DEU.010.018 ogwebela inkedama nomhlolokazi, othanda owasemzini, amnike ukudla, amnike nengubo.
10:19b.DEU.010.019 Mthandeni owasemzini; kuba nibe ningabasemzini ezweni laseYiputa.
10:20b.DEU.010.020 Uze umoyike uYehova uThixo wakho, umkhonze, unamathele kuye, ufunge igama lakhe.
10:21b.DEU.010.021 Yindumiso yakho, nguThixo wakho, okwenzele ezi zinto zinkulu zoyikekayo, azibonileyo amehlo akho.
10:22b.DEU.010.022 Behla beyimiphefumlo emashumi asixhenxe ooyihlo ukuya eYiputa; ke ngoku uYehova, uThixo wakho, unenze nanjengeenkwenkwezi zezulu, ukuba baninzi kwenu.
11
11:1b.DEU.011.001 Ngoko ke uze umthande uYehova uThixo wakho, ugcine isigxina sakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, nemithetho yakhe, imihla yonke.
11:2b.DEU.011.002 Yazini ke namhla; ngokuba andithethi noonyana benu abangakwazanga, abangakubonanga ukuqeqesha kukaYehova uThixo wenu, ubukhulu bakhe, nesandla sakhe esithe nkqi, nengalo yakhe eyolukileyo,
11:3b.DEU.011.003 nemiqondiso yakhe, nezenzo zakhe abezenzile phakathi kweYiputa kuFaro ukumkani waseYiputa, nakwilizwe lakhe lonke;
11:4b.DEU.011.004 noko wakwenzayo empini yamaYiputa, emahasheni ayo, nasezingqwelweni zayo zokulwa; oko wahambisa amanzi oLwandle oluBomvu phezu kwayo, ekunisukeleni kwayo, wayicima uYehova unanamhla;
11:5b.DEU.011.005 noko wakwenzayo kuni entlango, nada nafika kulendawo;
11:6b.DEU.011.006 noko wakwenzayo kooDatan noAbhiram, oonyana bakaEliyabhi unyana kaRubhen; ukuba umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nezindlu zabo, neentente zabo, nento yonke ephilileyo eyabalandelayo, ababakho phakathi kwamaSirayeli onke.
11:7b.DEU.011.007 Ngokuba amehlo enu azibonile zonke izenzo zikaYehova ezikhulu awazenzayo.
11:8b.DEU.011.008 Ize niwugcine wonke umthetho endiniwiselayo namhla, ukuze nomelele, ningene nilime ilizwe elo niwelela kulo, ukuba nilihluthe;
11:9b.DEU.011.009 ukuze niyolule imihla yenu emhlabeni lowo abewufungele ooyihlo uYehova, ukuba wowunika bona nembewu yabo, ilizwe elibaleka amasi nobusi.
11:10b.DEU.011.010 Kuba ilizwe elo uya kulo, usiya kulihlutha, alinjengelizwe laseYiputa, elo naphuma kulo, apho wayihlwayelayo imbewu yakho, waza wayinkcenkcesha ngonyawo lwakho, njengomyezo wemifuno.
11:11b.DEU.011.011 Ke lona ilizwe eniwelela kulo, nisiya kulihlutha, lilizwe leentaba nezihlambo, elisela amanzi emvula yezulu;
11:12b.DEU.011.012 lilizwe alikhathaleleyo uYehova uThixo wakho, ahlala ekulo amehlo kaYehova uThixo wakho, ethabathela ekuqaleni komnyaka, ade ase ekupheleni komnyaka.
11:13b.DEU.011.013 Kothi, ukuba nithe nayiphulaphula ngenyameko imithetho yam endiniwise layo namhla, yokuba nimthande uYehova uThixo wenu, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke:
11:14b.DEU.011.014 ndininike imvula yelizwe lenu ngexesha layo, ethambisayo nevuthisayo, uhlanganise ingqolowa yakho, newayini yakho entsha, neoli yakho;
11:15b.DEU.011.015 ndizinike utyani iinkomo zakho, emadlelweni akho, udle uhluthe.
11:16b.DEU.011.016 Zigcineni, hleze ikhohliseke intliziyo yenu, nityeke, nikhonze thixo bambi, nibanqule,
11:17b.DEU.011.017 uvuthe umsindo kaYehova kuni, alivingce izulu kungabikho mvula, umhlaba ungayivelisi indyebo yawo, nibhubhe kamsinya, ningabikho ezweni elihle, aninika lona uYehova.
11:18b.DEU.011.018 La mazwi am nize niwabekele intliziyo yenu nomphefumlo wenu niwabophe esandleni senu, abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo enu;
11:19b.DEU.011.019 niwafundise oonyana benu, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho;
11:20b.DEU.011.020 uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho:
11:21b.DEU.011.021 ukuze yande imihla yenu, nemihla yoonyana benu, emhlabeni lowo abewufungele ooyihlo uYehova, ukuba wobanika njengemihla yamazulu phezu kwehlabathi.
11:22b.DEU.011.022 Kuba, ukuba nithe nawugcina ngenyameko lo mthetho wonke ndiniwiselayo ukuba niwenze, nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, ninamathele kuye;
11:23b.DEU.011.023 wozigqogqa uYehova ezo ntlanga zonke phambi kwenu, nigqogqe iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunani.
11:24b.DEU.011.024 Indawo yonke, enyathelwa yintende yonyawo lwenu, yoba yeyenu; kuthabathela entlango, naseLebhanon, nasemlanjeni, emlanjeni ongumEfrati, kuse elwandle lwasentshonalanga, ingumda wenu.
11:25b.DEU.011.025 Akukho mntu uya kuma phambi kwenu; ukunkwantya nini, nokoyika nina, wokubeka uYehova uThixo wenu ezweni lonke enilinyatheleyo, njengoko wathethayo kuni.
11:26b.DEU.011.026 Yabonani, ndibeka phambi kwenu namhla intsikelelo nesiqalekiso:
11:27b.DEU.011.027 intsikelelo, ukuba nithe nayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwiselayo namhla;
11:28b.DEU.011.028 isiqalekiso, ukuba nithe anayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, nesuka natyeka endleleni leyo ndiniwisele umthetho ngayo namhla, nalandela thixo bambi eningabazanga.
11:29b.DEU.011.029 Kothi, xa athe uYehova, uThixo wakho, wakungenisa kulo ilizwe oya kulo, usiya kulima, uyikhuphele intsikelelo phezu kwentaba yeGerizim, nesiqalekiso phezu kwentaba ye-Ebhali.
11:30b.DEU.011.030 Ezo ntaba aziphesheya kweYordan na, ngaphaya kwendlela eya entshonalanga, ezweni lamaKanan, amiyo eArabha, malungana neGilgali, ecaleni leMioki kaMore?
11:31b.DEU.011.031 Kuba niya kuwela iYordan, nisiya kulihlutha ilizwe elo aninikayo uYehova uThixo wenu, nilihluthe ke nime kulo.
11:32b.DEU.011.032 Gcinani, niyenze yonke imimiselo namasiko endiwabekayo phambi kwenu namhla.
12
12:1b.DEU.012.001 Yiyo le imimiselo namasiko, enowagcina ukuba niwenze ezweni elo, akunika lona uYehova uThixo wooyihlo, ukuba ulime yonke imihla enidla ngayo ubomi emhlabeni.
12:2b.DEU.012.002 Zichitheni kuphele zonke iindawo, apho iintlanga enizigqogqayo zabakhonzela khona oothixo bazo, ezintabeni eziphakamileyo, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza;
12:3b.DEU.012.003 nizidilize izibingelelo zazo, niziqhekeze izimiso zazo zamatye, nibatshise ngomlilo ooAshera bazo, niyixakaxe imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bazo, nilicime igama lazo kule ndawo.
12:4b.DEU.012.004 Ize ke ningenjenjalo kuYehova uThixo wenu.
12:5b.DEU.012.005 Endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wenu ezizweni zenu zonke, ukuba alimise khona igama lakhe, ukuba ahlale khona, ize niquqele khona, niye khona.
12:6b.DEU.012.006 Nowasa khona amadini enu anyukayo, nemibingelelo yenu, nezishumi zenu, nomrhumo wesandla senu, nezibhambathiso zenu, nemibinge yenu emfutshane;
12:7b.DEU.012.007 nidle khona phambi koYehova uThixo wenu, nivuye entweni yonke enisa isandla senu kuyo, nina nezindlu zenu, akusikeleleyo kuyo uYehova uThixo wakho.
12:8b.DEU.012.008 Ize ningenzi ngokwezinto zonke esizenzayo apha namhla, elowo esenza okuthe tye emehlweni akhe;
12:9b.DEU.012.009 kuba okwangoku anikangeni ekuphumleni oko, naselifeni elo, aninikayo uYehova uThixo wenu.
12:10b.DEU.012.010 Ke noyiwela iYordan, nihlale ezweni elo, uYehova uThixo wenu aya kunidlisa ilifa kulo, aniphumze ezintshabeni zenu zonke ngeenxa zonke, nihlale nikholosile.
12:11b.DEU.012.011 Kothi ke kubekho indawo aya kuyinyula uYehova uThixo wenu, alihlalise khona igama lakhe, nizizise khona izinto zonke endiniwisela umthetho ngazo; amadini enu anyukayo, nemibingelelo yenu, nezishumi zenu, nomrhumo wesandla senu, nezibhambathiso zenu zonke ezinyuliweyo, enibhambathisa ngazo kuYehova;
12:12b.DEU.012.012 nivuye phambi koYehova uThixo wenu, nina noonyana benu, neentombi zenu, nezicaka zenu, nezicakakazi zenu, nomLevi osemasangweni enu, ngokuba akanasabelo nalifa nani.
12:13b.DEU.012.013 Zigcine, amadini akho anyukayo ungawanyusi ezindaweni zonke ozibonayo.
12:14b.DEU.012.014 Ke endaweni leyo aya kuyinyula uYehova, kwesinye sezizwe sakowenu, wowanyusa khona amadini akho anyukayo, ukwenze khona konke endikuwisela umthetho ngako.
12:15b.DEU.012.015 Noko ke, ngokunqwena konke komphefumlo wakho, ungaxhela uyidle inyama, ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo, emasangweni akho onke; oyinqambi nohlambulukileyo bangayidla into enjengebhadi nenjengexhama.
12:16b.DEU.012.016 Ligazi lodwa eningasayi kulidla woliphalazela emhlabeni njengamanzi.
12:17b.DEU.012.017 Akunakusidlela emasangweni akho isishumi sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho nawempahla yakho emfutshane, nezibhambathiso zakho zonke obhambathisa ngazo, nemibingelelo yakho yokuqhutywa yintliziyo, nomrhumo wesandla sakho.
12:18b.DEU.012.018 Zona uze uzidlele phambi koYehova uThixo wakho, endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, wena ke, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi osemasangweni akho; uvuye phambi koYehova uThixo wakho ezintweni zonke osa isandla sakho kuzo.
12:19b.DEU.012.019 Zigcine, ungamlibali umLevi, yonke imihla yokuphila kwakho emhlabeni wakho.
12:20b.DEU.012.020 Xa athe uYehova uThixo wakho wawenza banzi umda wakho, njengoko abethethe ngako kuwe, uthi, Ndiya kudla inyama, ngokuba umphefumlo wakho unqwenela ukuyidla inyama: ungayidla inyama ngokungqwena konke komphefumlo wakho.
12:21b.DEU.012.021 Xa ithe yamgama kuwe indawo leyo, aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, ukuba alimise kuyo igama lakhe: woxhela ezinkomeni zakho, nasempahleni yakho emfutshane, akunikileyo uYehova, njengoko ndakuwisela umthetho ngako, udle emasangweni akho ngokunqwena konke komphefumlo wakho.
12:22b.DEU.012.022 Kanye njengokuba lidliwa ibhadi nexhama, uya kwenjenjalo ukuyidla; oyinqambi nohlambulukileyo bofana ukuyidla.
12:23b.DEU.012.023 Kodwa qina ungalidli igazi, kuba igazi ngumphefumlo; uze ungawudli ke umphefumlo kunye nenyama.
12:24b.DEU.012.024 Uze ungalidli; woliphalazela emhlabeni njengamanzi.
12:25b.DEU.012.025 Uze ungalidli; ukuze kulunge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, xa uthe wakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova.
12:26b.DEU.012.026 Zizinto zakho ezingcwele zodwa ezilunge kuwe, nezibhambathiso zakho, owozithabatha uzise endaweni leyo aya kuyinyula uYehova;
12:27b.DEU.012.027 wenze amadini akho anyukayo, inyama negazi, esibingelelweni sikaYehova uThixo wakho; igazi lemibingelelo yakho uligalele esibingelelweni sikaYehova uThixo wakho, uyidle inyama yona.
12:28b.DEU.012.028 Gcina uwaphulaphule la mazwi onke, ndikuwisela umthetho ngawo, ukuze kulunge kuwe nakoonyana bakho emva kwakho, kude kuse ephakadeni, xa uthe wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakho.
12:29b.DEU.012.029 Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla phambi kwakho iintlanga, apho uya kuzigqogqa khona, wazigqogqa ke, wahlala ezweni lazo:
12:30b.DEU.012.030 zigcine, hleze uthiyelwe uzilandele, emveni kokutshatyalaliswa kwazo phambi kwakho; hleze uquqele koothixo bazo, uthi, Zibe zisithini na ezi ntlanga ukubakhonza oothixo bazo? Ndiya kwenjenjalo nam.
12:31b.DEU.012.031 Uze ungenjenjalo kuYehova uThixo wakho; kuba yonke into elisikizi kuYehova, ayithiyileyo, ziyenzile koothixo bazo; ngokuba kwanoonyana bazo neentombi zazo zizitshise emlilweni koothixo bazo.
12:32b.DEU.012.032 Into yonke endisukuba ndiniwisele umthetho ngayo, ize nigcine ukuyenza; uze ungongezi kuyo unganciphisi nto.
13
13:1b.DEU.013.001 Xa kuthe kwavela phakathi kwakho umprofeti nomphuphi wamaphupha, wakunika imiqondiso nezimanga,
13:2b.DEU.013.002 yabakho ke imiqondiso nezimanga azithethileyo kuwe, esithi, Masilandele thixo bambi ongabaziyo, sibakhonze:
13:3b.DEU.013.003 uze ungawaphulaphuli amazwi aloo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha; ngokuba kusukuba enilinga uYehova uThixo wenu, ukuze azi ukuba niyamthanda na uYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.
13:4b.DEU.013.004 Nize nilandele uYehova uThixo wenu, noyike yena, nigcine imithetho yakhe, niphulaphule ilizwi lakhe, nikhonze yena, ninamathele kuye.
13:5b.DEU.013.005 Ke loo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha makabulawe; kuba ethethe elokutyeka kuYehova uThixo wenu, owanikhuphayo ezweni laseYiputa, wanikhulula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka; ukuba akuwexule endleleni, akuwisele umthetho ngayo uYehova uThixo wakho ukuba uhambe ngayo. Uze ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
13:6b.DEU.013.006 Xa athe umzalwana wakho, umntakanyoko, nonyana wakho, nentombi yakho, nomfazi wesifuba sakho, nommelwane wakho onjengomphefumlo wakho kuwe, wakuhenda ngasese, esithi, Masiye kukhonza thixo bambi ongabazanga, wena nooyihlo;
13:7b.DEU.013.007 koothixo bezizwe eziningqongileyo, ezikufuphi kuwe, nokuba zezikude nawe, ezithabathele esiphelweni sehlabathi, zada zesa esiphelweni sehlabathi:
13:8b.DEU.013.008 uze ungavumelani naye, ungamphulaphuli; lingabi nanceba iliso lakho kuye, ungamcongi, ungamfihli; uze umbulale afe.
13:9b.DEU.013.009 Kofika esakho isandla kuye kuqala ukuba simbulale, kwandule ukufika esabantu bonke isandla emva koko,
13:10b.DEU.013.010 umxulube ngamatye afe; ngokuba efune ukukuwexula kuYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;
13:11b.DEU.013.011 eve onke amaSirayeli, oyike, angaphindi enze ububi obunjengobo phakathi kwakho.
13:12b.DEU.013.012 Xa uthe weva komnye umzi wemizi yakowenu, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba uhlale kuwo, kusithiwa,
13:13b.DEU.013.013 Kuphume amadoda angamatshijolo phakathi kwakho, awexula abemi bomzi wawo, esithi, Hambani, siyekukhonza thixo bambi, eningabaziyo:
13:14b.DEU.013.014 wophengulula, ugocagoce, ubuzise, ucokise; O! iyinyaniso, iqinisekile le nto, lenzekile eli sikizi phakathi kwakho:
13:15b.DEU.013.015 uze ubabulale kuthi tu abemi baloo mzi ngohlangothi lwekrele, uwusingele phantsi, nento yonke ekuwo, kwanenkomo yawo, ngohlangothi lwekrele.
13:16b.DEU.013.016 Wowabuthela onke amaxhoba awo esazulwini sendawo yawo yembutho, uwutshise ngomlilo loo mzi namaxhoba awo onke, ube lidini elipheleleyo kuYehova uThixo wakho, ube ngumwewe ongunaphakade, ungabi sakhiwa.
13:17b.DEU.013.017 Esandleni sakho makunganamatheli nento le kwezi zinto zisingelwe phantsi; ukuze abuye uYehova ekuvutheni komsindo wakhe, abe nemfesane kuwe, asikwe yimfesane ngawe, akwandise, njengoko wabafungelayo ooyihlo;
13:18b.DEU.013.018 xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla. ukuba ukwenze okuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakho.
14
14:1b.DEU.014.001 Ningoonyana kuYehova uThixo wenu; ize ningazicenti, ningenzi mpandla phezu kwamehlo enu ngenxa yomfi;
14:2b.DEU.014.002 ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu; uYehova uninyulele ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, ezizweni zonke eziphezu komhlaba.
14:3b.DEU.014.003 Uze ungadli nanye into elisikizi.
14:4b.DEU.014.004 Zizo ezi izinto ezizitho zine enozidla:
14:5b.DEU.014.005 inkomo, imvu, imbuzi, ixhama, nebhadi, nelinqa, netshabangqa, nenqu, neula, negogo.
14:6b.DEU.014.006 Yonke into ezitho zine ethiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe zacandwa kubini, etyisa umtyiso, ezintweni ezizitho zine, noyidla yona.
14:7b.DEU.014.007 Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, nembila, nomvundla; ngokuba zetyisa umtyiso, ke aziluthe gqiphu uphuphu, ziziinqambi ke kuni;
14:8b.DEU.014.008 nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, phofu ingetyisi, iyinqambi kuni. Inyama yazo ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi.
14:9b.DEU.014.009 Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo nozidla.
14:10b.DEU.014.010 Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ize ningazidli; ziziinqambi kuni.
14:11b.DEU.014.011 Zonke iintaka ezihlambulukileyo nozidla.
14:12b.DEU.014.012 Eningayi kuzidla zezi: ixhalanga, nosilwangangubo, nonomakhwezana,
14:13b.DEU.014.013 nesangxa, noontloyiya ngohlobo lwabo;
14:14b.DEU.014.014 nehlungulu lonke ngohlobo lwalo;
14:15b.DEU.014.015 nenciniba, nesihuluhulu, nengabangaba, nentambane ngohlobo lwayo;
14:16b.DEU.014.016 nesikhova, nefubesi, nenkuku yamanzi;
14:17b.DEU.014.017 nengcwangube, nenkqo, nogwidi;
14:18b.DEU.014.018 nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane.
14:19b.DEU.014.019 Yonke inyakanyaka enamphiko iyinqambi kuni; ize ningayidli.
14:20b.DEU.014.020 Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningazidla.
14:21b.DEU.014.021 Ize ningayidli yonke into ezifeleyo; ungamnika owasemzini osemasangweni akho, adle; ungathengisa ngayo kowolunye uhlanga; ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu. Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.
14:22b.DEU.014.022 Uze unikele isishumi songeniselo lonke lwembewu yakho ephuma entsimini, iminyaka ngeminyaka;
14:23b.DEU.014.023 udle phambi koYehova uThixo wakho endaweni leyo aya kuyinyulela ukuhlalisa igama lakhe kuyo, esishumini sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho, nawempahla yakho emfutshane; ukuze ufunde ukumoyika uYehova uThixo wakho yonke imihla.
14:24b.DEU.014.024 Xa indlela ithe yande kuwe, naxa uthe wakhohlwa ukusisa sona, ngokuba ikude kuwe indawo leyo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulimisa kuyo igama lakhe, naxa athe wakusikelela uYehova uThixo wakho:
14:25b.DEU.014.025 wosanana ngemali, uyibophe imali esandleni sakho, uye endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho,
14:26b.DEU.014.026 uyanane imali ngeento zonke osukuba uzinqwenela umphefumlo wakho, ngeenkomo, nangempahla emfutshane, nangewayini, nangesiselo esinamandla, nangeento zonke ozibizayo umphefumlo wakho; udle khona phambi koYehova uThixo wakho, uvuye wena nendlu yakho.
14:27b.DEU.014.027 NomLevi osemasangweni akho uze ungamlibali, ngokuba akanasabelo nalifa ndawonye nawe.
14:28b.DEU.014.028 Ekupheleni kweminyaka emithathu, wokhupha sonke isishumi songeniselo lwakho lwaloo mnyaka, ulufumbe emasangweni akho;
14:29b.DEU.014.029 eze umLevi, ngokuba engenasabelo nalifa ndawonye nawe, nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho, badle bahluthe; ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho emsebenzini wonke wesandla sakho owusebenzayo.
15
15:1b.DEU.015.001 Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, uze wenze uyekelelo.
15:2b.DEU.015.002 Nali ke isiko loyekelelo: Bonke ababoleki ababoleke ngesandla sabo, mabayiyekelele into abayiboleke ummelwane wabo, bangammemi ummelwane wabo ongumzalwana wabo; ngokuba kumenyezwe uyekelelo lukaYehova.
15:3b.DEU.015.003 Ungammema owolunye uhlanga; ke into eyiyeyakho ekumzalwana wakho soyiyekelela isandla sakho.
15:4b.DEU.015.004 Kodwa ke ze kungabikho hlwempu kuwe; ngokuba uYehova wokusikelela kakhulu ezweni elo, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, ulime;
15:5b.DEU.015.005 ukuba uthe kodwa waliphulaphula ngenyameko izwi likaYehova uThixo wakho, wagcina ukuwenza wonke lo mthetho ndikuwiselayo namhla.
15:6b.DEU.015.006 Ngokuba uYehova uThixo wakho ukusikelele, njengoko wathethayo kuwe; woboleka iintlanga ezininzi ngezibambiso, ke wena akuyi kuboleka kuzo ngazibambiso. Wolawula iintlanga ezininzi, ke zona aziyi kukulawula.
15:7b.DEU.015.007 Xa kuthe kwakho ihlwempu kuwe ebazalwaneni bakho, nokuba kukuliphi kumasango akho, ezweni lakho akunikayo uYehova, uThixo wakho, uze ungayenzi ingqoshomba intliziyo yakho, usivale isandla sakho kumzalwana wakho olihlwempu.
15:8b.DEU.015.008 Uze usivule kakhulu isandla sakho kuye, umboleke into elingene ukuswela kwakhe aswele ngako.
15:9b.DEU.015.009 Uze uzigcine kungabikho butshijolo entliziyweni yakho, uthi, Usondele umnyaka wesixhenxe, umnyaka woyekelelo; libe libi iliso lakho ngakumzalwana wakho olihlwempu, ungamniki nto; aze akhale ngawe kuYehova, ube nesono.
15:10b.DEU.015.010 Uze umnike, ingabi mbi intliziyo yakho ekumnikeni kwakho; ngokuba ngenxa yale ndawo wokusikelela uYehova uThixo wakho emsebenzini wakho wonke, nasezintweni zonke osa isandla sakho kuzo.
15:11b.DEU.015.011 Kuba alisayi kuza lingabikho ihlwempu phakathi kwelizwe elo; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho, ndisithi, Sivule kakhulu isandla sakho kumzalwana wakho olusizana, olihlwempu lakho ezweni lakho.
15:12b.DEU.015.012 Xa athe wazithengisa kuwe umzalwana wakho, umHebhere nokuba ngumHebherekazi, wakukhonza iminyaka emithandathu, womndulula ngomnyaka wesixhenxe ekhululekile kuwe.
15:13b.DEU.015.013 Xa uthe wamndulula ekhululekile kuwe, uze ungamndululi elambatha.
15:14b.DEU.015.014 Wompha umphe empahleni yakho emfutshane, nasesandeni sakho, nasesixovulelweni sakho; umnike into akusikelele ngayo uYehova uThixo wakho;
15:15b.DEU.015.015 ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhulula uYehova uThixo wakho; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ngale nto namhla.
15:16b.DEU.015.016 Kothi, xa athe kuwe, Andimki kuwe; ngokuba ekuthanda wena nendlu yakho, ngokuba kulungile kuye ekuwe nje:
15:17b.DEU.015.017 uthabathe ke inyatyhowa, umhlabe ngayo endlebeni iye kuma elucangweni, abe sisicaka kuwe ngonaphakade. Nakwisicakakazi sakho uze wenjenjalo.
15:18b.DEU.015.018 Makunganqabi emehlweni akho ukumndulula kwakho ekhululekile kuwe; ngokuba kuwe unjengomqeshwa okuqeshwa kubini, ekukhonze iminyaka emithandathu nje: wokusikelela uYehova uThixo wakho ezintweni zonke ozenzayo.
15:19b.DEU.015.019 Onke amazibulo athe azalwa ziinkomo zakho nayimpahla yakho emfutshane angamaduna, wowangcwalisa kuYehova uThixo wakho. Uze ungawasebenzisi amazibulo eenkomo zakho, ungawachebi amazibulo empahla yakho emfutshane.
15:20b.DEU.015.020 Wowadlela phambi koYehova uThixo wakho iminyaka ngeminyaka, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova, wena nendlu yakho.
15:21b.DEU.015.021 Xa athe aba nesiphako, aziziqhwala, aziimfama, onke anesiphako esibi, uze ungawabingeleli kuYehova uThixo wakho.
15:22b.DEU.015.022 Wowadlela emasangweni akho; oyinqambi nohlambulukileyo bofana ukuyidla into enjengebhadi nenjengexhama.
15:23b.DEU.015.023 Ligazi lawo lodwa eningayi kulidla; woliphalazela emhlabeni njengamanzi.
16
16:1b.DEU.016.001 Yigcine inyanga enguAbhibhi, wenze ipasika kuYehova uThixo wakho; ngokuba wakukhupha ngenyanga enguAbhibhi uYehova uThixo wakho eYiputa ebusuku.
16:2b.DEU.016.002 Uze ubingelele ipasika kuYehova uThixo wakho, impahla emfutshane neenkomo, kuloo ndawo uYehova aya kuyinyulela ukuba alibeke kuyo igama lakhe.
16:3b.DEU.016.003 Uze ungadli nto inegwele kunye nayo; imihla yoba sixhenxe usidla izonka ezingenagwele kunye nayo, isonka seentsizi, ngokuba waphuma buphuthuphuthu ezweni laseYiputa; ukuze uwukhumbule umhla wokuphuma kwakho ezweni laseYiputa yonke imihla yokudla kwakho ubomi.
16:4b.DEU.016.004 Kuze kungabonwa gwele emideni yakho yonke imihla esixhenxe; ze kungabikho ntwana yanyama, oyibingelelayo ngokuhlwa ngosuku lokuqala, eba ngumbeko kude kuse.
16:5b.DEU.016.005 Akunako ukuyibingelela ipasika kulimbi isango, emasangweni akho akunikayo uYehova uThixo wakho;
16:6b.DEU.016.006 ke kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe, woyibingelela apho ipasika, ngokuhlwa, ukutshona kwelanga, ngexesha owaphuma ngalo eYiputa;
16:7b.DEU.016.007 uyose, uyidle, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho; ubuye kusasa, uye ezintenteni zakho.
16:8b.DEU.016.008 Wodla izonka ezingenagwele imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe yingqungquthela kaYehova uThixo wakho; uze ungenzi namnye umsebenzi.
16:9b.DEU.016.009 Uze uzibalele iiveki ezisixhenxe. Woqala ukuzibalela iiveki ezisixhenxe uthabathela ekulifakeni irhengqa engqoloweni ingekavunwa;
16:10b.DEU.016.010 wenze umthendeleko weeveki kuYehova uThixo wakho ngokomlinganiso wombingelelo wokuqhutywa yintliziyo wesandla sakho, uwunike njengokusikelelwa kwakho nguYehova uThixo wakho;
16:11b.DEU.016.011 uvuye phambi koYehova uThixo wakho, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi ose. masangweni akho, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi ophakathi kwenu, kuloo ndawo aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe uYehova, uThixo wakho.
16:12b.DEU.016.012 Uze ukhumbule ukuba ube ulikhoboka eYiputa, uyigcine uyenze le mimiselo.
16:13b.DEU.016.013 Uze uzenzele umthendeleko weminquba imihla esixhenxe, wakukhova ukubutha okusesandeni sakho, nasesixovulelweni sakho;
16:14b.DEU.016.014 uvuye emthendelekweni wakho, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho.
16:15b.DEU.016.015 Imihla yoba sixhenxe usenza umthendeleko kuYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kukusikela elungeniselweni lwakho lonke, nasemisebenzini yonke yezandla zakho, ube nokuvuya kuphele.
16:16b.DEU.016.016 Izihlandlo ezithathu ngomnyaka mayibonakale into yonke eyindoda ebusweni bukaYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula; ngomthendeleko wezonka ezingenagwele, nangomthendeleko weeveki, nangomthendeleko weminquba. Makangabonakali ke engaphethe lutho ebusweni bukaYehova;
16:17b.DEU.016.017 elowo abonakale ngokupha kwesandla sakhe, ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo.
16:18b.DEU.016.018 Wozimisela abagwebi nababhali emasangweni akho onke akunikayo uYehova uThixo wakho, ngokwezizwe zakho, bagwebe abantu ngogwebo olulungileyo.
16:19b.DEU.016.019 Uze ungasijiki isigwebo, ungakhethi buso, ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi simfamekisa amehlo ezilumko, siphenule iindawo zamalungisa.
16:20b.DEU.016.020 Ubulungisa, ubulungisa obu, uze ubuphuthume, ukuze uphile, ulihluthe ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho.
16:21b.DEU.016.021 Uze ungazigxumekeli Ashera wemithi, nokuba yiyiphi, ecaleni lesibingelelo sikaYehova uThixo wakho, ozenzela sona;
16:22b.DEU.016.022 ungazimiseli simiso selitye, into ayithiyileyo uYehova uThixo wakho.
17
17:1b.DEU.017.001 Uze ungabingeleli kuYehova uThixo wakho nkomo nagusha inasiphako, nandawo imbi nokuba yiyiphi; ngokuba oko kulisikizi kuYehova uThixo wakho.
17:2b.DEU.017.002 Xa kuthe kwafunyanwa phakathi kwenu, nakuliphi isango emasangweni akho akunikayo uYehova uThixo wakho, indoda nokuba yinkazana eyenze okubi emehlweni kaYehova uThixo wakho ngokugqitha umnqophiso wakhe;
17:3b.DEU.017.003 yaya, yakhonza thixo bambi, yazinqula, ilanga, nenyanga, nomkhosi wonke wasezulwini, into endingawisanga mthetho ngayo;
17:4b.DEU.017.004 waxelelwa ke, weva, wabuza wacokisa, wafumana iyinyaniso, iqinisekile le nto, lenzekile eli sikizi kwaSirayeli:
17:5b.DEU.017.005 woyikhupha loo ndoda, nokuba yiloo nkazana, iyenzileyo loo nto imbi, emasangweni akho, loo ndoda nokuba yiloo nkazana uyixulube ngamatye, ife.
17:6b.DEU.017.006 Ofanele ukufa wobulawa ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamangqina amathathu; makangabulawa ngomlomo wangqina linye.
17:7b.DEU.017.007 Kofika kuqala kuye isandla samangqina ukumbulala, kufike isandla sabantu bonke emveni koko; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
17:8b.DEU.017.008 Xa ithe yakunqabela indawo ekugwebeni phakathi kwegazi negazi, phakathi kwetyala netyala, phakathi kobetho nobetho, iziindawo ekubanjwene ngazo emasangweni akho: wosuka unyuke uye kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho;
17:9b.DEU.017.009 uye kubabingeleli abaLevi, nakumgwebi oya kubakho ngaloo mihla, ubuze, bakuxelele ilizwi lokugweba.
17:10b.DEU.017.010 Uze wenze ngokwentetho yelizwi abokuxelela lona, bekuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; ugcine ukwenza ngako konke abaya kukuyala ngako.
17:11b.DEU.017.011 Ngokwentetho yomyalelo abaya kukuyala ngayo, nangokwesigwebo abaya kusithetha kuwe, uze wenze, ungatyeki kulo ilizwi abaya kukuxelela, uye ekunene nasekhohlo.
17:12b.DEU.017.012 Indoda leyo ethe yenza ngokukhukhumala, ingamphulaphuli umbingeleli omiyo, olungiselela khona kuYehova uThixo wakho, nomgwebi lowo: mayife loo ndoda; ubutshayele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli;
17:13b.DEU.017.013 bova ke bonke abantu, boyike, bangabi sakhukhumala.
17:14b.DEU.017.014 Xa uthe wafika kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, walihlutha, wema kulo, wathi, Ndiyakuzimisela ukumkani njengeentlanga zonke ezindijikelezileyo:
17:15b.DEU.017.015 wozimisela ukumkani aya kumnyula uYehova uThixo wakho, uzimisele ukumkani wakubazalwana bakho. Akungekhe uzimisele ndoda yolunye uhlanga, engengumzalwana wakho.
17:16b.DEU.017.016 Kodwa makangazandiseli mahashe, angababuyiseli abantu eYiputa ukuze andise amahashe; ngokuba uYehova wathi kuni, Ize ningabi saphinda nibuye ngaloo ndlela.
17:17b.DEU.017.017 Makangazandiseli bafazi, ize ityeke intliziyo yakhe; angazandiseli kakhulu silivere nagolide.
17:18b.DEU.017.018 Wothi, xenikweni athe wahlala etroneni yobukumkani bakhe, azibhalele impinda yombhalo yalo myalelo encwadini, ethabatha kwephambi kwababingeleli abaLevi.
17:19b.DEU.017.019 Yoba ngakuye alese kuyo imihla yonke yobomi bakhe, ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakho, nokuwagcina onke amazwi alo myalelo nale mimiselo, ukuba awenze;
17:20b.DEU.017.020 ukuba ingaphakami intliziyo yakhe phezu kwabazalwana bakhe, angatyeki emthethweni, aye ekunene nasekhohlo; ukuze ayolule imihla ebukumkanini bakhe, yena noonyana bakhe phakathi kwamaSirayeli.
18
18:1b.DEU.018.001 Ababingeleli, abaLevi, sonke isizwe sabaLevi, mabangabi nasabelo nalifa kunye namaSirayeli; bodla ukudla kwasemlilweni ke kukaYehova, nelifa lakhe.
18:2b.DEU.018.002 Mabangabi nalifa phakathi kwabazalwana babo; nguYehova ilifa labo, njengoko wathethayo kubo.
18:3b.DEU.018.003 Soba sesi ke isilunga sababingeleli, esiphuma ebantwini, esiphuma kwababingelela imibingelelo, nokuba yinkomo, nokuba yigusha: bomnika umbingeleli umkhono, nemihlathi, neswili.
18:4b.DEU.018.004 Womnika ulibo lwengqolowa yakho, nolwewayini yakho entsha, nolweoli yakho; noboya bokuqala bomchebo wempahla yakho emfutshane.
18:5b.DEU.018.005 Ngokuba uYehova uThixo wakho wamnyula ezizweni zakho zonke, ukuba eme alungiselele egameni likaYehova, yena noonyana bakhe, yonke imihla.
18:6b.DEU.018.006 Xa athe weza umLevi ephuma nakuliphi isango emasangweni akho, kuwo onke amaSirayeli, apho aphambukele khona, weza ngokunqwena konke komphefumlo wakhe kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova,
18:7b.DEU.018.007 walungiselela egameni likaYehova uThixo wakhe, njengabazalwana bakhe bonke abaLevi, abamiyo khona phambi koYehova:
18:8b.DEU.018.008 wodla isabelo njengabanye; ibe yodwa yona intengiso yakhe ngezinto zezindlu zooyise.
18:9b.DEU.018.009 Xa uthe wafika kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uze ungafundi ukwenza amasikizi ezo ntlanga.
18:10b.DEU.018.010 Maze kungafunyanwa namnye kuwe ucandisa unyana wakhe nentombi yakhe emlilweni, novumisayo, nolitola, nohlaba izihlabo, nokhafulayo,
18:11b.DEU.018.011 nobopha ngomabophe, nobuza koneshologu, nosiyazi, noquqela kwabafileyo.
18:12b.DEU.018.012 Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto; kungenxa yaloo masikizi, le nto uYehova uThixo wakho azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.
18:13b.DEU.018.013 Uze ugqibelele ukuba noYehova uThixo wakho.
18:14b.DEU.018.014 Kuba ezintlanga uzigqogqayo zaphulaphula amatola nabavumisi; ke wena akakunikanga okunjalo uYehova uThixo wakho.
18:15b.DEU.018.015 UYehova uThixo wakho uya kunivelisela umprofeti ophuma phakathi kwenu, kubazalwana benu, onjengam: ize niphulaphule yena;
18:16b.DEU.018.016 njengako konke owakucelayo kuYehova uThixo wakho, eHorebhe ngomhla wesikhungu, usithi, Mandingaphindi ndilive ilizwi likaYehova uThixo wam, nalo mlilo mkhulu mandingabi sawubona, ukuze ndingafi.
18:17b.DEU.018.017 Wathi ke uYehova kum, balungisile ukutsho;
18:18b.DEU.018.018 ndiya kubavelisela umprofeti ephuma phakathi kwabazalwana babo, onjengawe; ndiwabeke amazwi am emlonyeni wakhe, athethe kubo konke endiya kubawisela umthetho ngako.
18:19b.DEU.018.019 Kothi ke, kulowo uthe akaliphulaphula ilizwi lam, aya kulithetha egameni lam, mna ndiyibuze loo nto kuloo mntu.
18:20b.DEU.018.020 Kodwa umprofeti yena othe wakhukhumala, wathetha ilizwi egameni lam, endingamwiselanga mthetho ukuba alithethe, nothe wathetha egameni lathixo bambi: loo mprofeti makafe.
18:21b.DEU.018.021 Xa ke uthe entliziyweni yakho, Sothini na ukulazi ilizwi angalithethanga uYehova?
18:22b.DEU.018.022 ilizwi, athe walithetha umprofeti egameni likaYehova, alabakho, alehla: lelo ilizwi angalithethanga uYehova. Uthethe ngokukhukhumala umprofeti lowo; uze unganxunguphaliswa nguye.
19
19:1b.DEU.019.001 Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla iintlanga ezo akunika ilizwe lazo uYehova uThixo wakho, wazigqogqa wena, wahlala emizini yazo nasezindlwini zazo:
19:2b.DEU.019.002 wozahlulela imizi emithathu phakathi kwelizwe lakho, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ulime;
19:3b.DEU.019.003 uzilungisele indlela, uwahlule ube zahlulo zithathu umda welizwe lakho, aya kukudlisa ilifa lalo uYehova uThixo wakho, ukuze bonke ababulali basabele khona.
19:4b.DEU.019.004 Lilo eli isiko awophathwa ngalo umbulali, othe wasabela khona ukuba asinde: Othe wambulala ummelwane wakhe ngengozi, ebengamthiyile ngaphambili;
19:5b.DEU.019.005 waya nommelwane wakhe ehlathini, esiya kugawula imithi, isandla sakhe sajiwula izembe, enqumla imithi, yaphunyuka intsimbi emphinini, yabetha kummelwane wakhe, wafa: lowo wosabela komnye umzi kuloo mizi, asinde;
19:6b.DEU.019.006 hleze umphindezeli wegazi amsukele umbulali lowo, kuba ishushu intliziyo yakhe, amfumane ngokuba nde kwendlela, ambulale afe; engafanele kufa, kuba ebengamthiyile ngaphambili.
19:7b.DEU.019.007 Ngenxa yoko ndikuwisela umthetho, ndisithi, Wozahlulela imizi emithathu.
19:8b.DEU.019.008 Ke ukuba uYehova uThixo wakho uthe wawenza banzi umda wakho, njengoko wafungayo kooyihlo, wakunika lonke elo zwe, awathi wobanika lona ooyihlo;
19:9b.DEU.019.009 xa uthe wawugcina ukuba uwenze, lo mthetho wonke ndikuwisela wona namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe imihla yonke; usaya kuyongeza imizi ibe mithathu kule mithathu;
19:10b.DEU.019.010 ukuze kungaphalazwa gazi lingenatyala phakathi kwelizwe lakho, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, amagazi abe phezu kwakho.
19:11b.DEU.019.011 Xa athe umntu wamthiya ummelwane wakhe, wamlalela, wamvunukela, wambulala, wafa; wasabela komnye umzi kuloo mizi;
19:12b.DEU.019.012 amadoda amakhulu omzi wakhe othumela, amthabathe khona, amnikele esandleni somphindezeli wegazi, ambulale, afe.
19:13b.DEU.019.013 Ze lingabi nanceba iliso lakho kuye; wolitshayela ke igazi elingenatyala, lingabikho kwaSirayeli, kulunge kuwe.
19:14b.DEU.019.014 Uze ungawushenxisi umlimandlela wommelwane wakho, abawumisayo abamandulo elifeni lakho, oya kulidla ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ulime.
19:15b.DEU.019.015 Ze kungesuki kume ngqina linye ngomntu ngenxa yobugwenxa, nokuba bubuphi na, nangenxa yesono nokuba sisiphi, esonweni nokuba sisiphi one ngaso; lize limiswe ilizwi ngomlomo wamangqina amabini, nokuba kungomlomo wamangqina amathathu.
19:16b.DEU.019.016 Xa kuthe kwema ingqina elifumana limbopha umntu, ukuba lingqine okutyekileyo ngaye,
19:17b.DEU.019.017 loo madoda mabini abambeneyo oma phambi koYehova, phambi kwababingeleli nabagwebi abaya kubakho ngaloo mihla bancine abagwebi.
19:18b.DEU.019.018 Ukuba ke ingqina lilingqina lobuxoki, lingqine ubuxoki ngomzalwana walo,
19:19b.DEU.019.019 ize nenze kulo, njengoko belicinga ukwenza ngako kumzalwana walo; nibutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwenu.
19:20b.DEU.019.020 Bova abanye, boyike, kungabi saphindwa kwenziwe ngokwale ndawo imbi phakathi kwenu.
19:21b.DEU.019.021 Ze lingabi nanceba iliso lakho: umphefumlo wobuyiselwa ngomphefumlo, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo.
20
20:1b.DEU.020.001 Xa uthe waphuma waya kulwa neentshaba zakho, waza wabona amahashe neenqwelo zokulwa, abantu abaninzi kunawe, uze ungaboyiki; ngokuba unawe uYehova uThixo wakho, owakunyusayo ezweni laseYiputa.
20:2b.DEU.020.002 Kothi ke, xenikweni nithe nasondela ekulweni, afike umbingeleli, athethe ebantwini, athi kubo, Yiva, Sirayeli!
20:3b.DEU.020.003 Nisondele namhla ekulweni neentshaba zenu; mayingathambi intliziyo yenu, musani ukoyika, musani ukuphakuzela, musani ukungcangcazela ebusweni bazo;
20:4b.DEU.020.004 ngokuba uYehova uThixo wenu uhamba nani, ukuba anilwele kwiintshaba zenu, anisindise.
20:5b.DEU.020.005 Ababhali bothetha ebantwini, bathi, Ngubani na umntu owakhe indlu entsha, akayisungula? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, isungulwe mntu wumbi.
20:6b.DEU.020.006 Ngubani na umntu otyele isidiliya, akadla kuso? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, sidliwe mntu wumbi.
20:7b.DEU.020.007 Ngubani na umntu ogane umfazi, akamzeka? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, azekwe mntu wumbi.
20:8b.DEU.020.008 Boqokela ababhali bathethe ebantwini, bathi, Ngubani na umntu owoyikayo, ontliziyo ithambileyo? Makahambe abuyele endlwini yakhe, inganyibiliki intliziyo yabazalwana bakhe, njengentliziyo yakhe.
20:9b.DEU.020.009 Kothi bakugqiba ababhali ukuthetha ebantwini, bamise abathetheli bemikhosi bokukhokela abantu.
20:10b.DEU.020.010 Xa uthe wasondela emzini, usiya kulwa nawo, womemeza uxolo kuwo;
20:11b.DEU.020.011 kuthi, ukuba uthe wakuphendula ngoxolo wakuvulela, bonke abantu abafunyenwe kuwo babe ngabafakwa uviko, bakukhonze.
20:12b.DEU.020.012 Ke ukuba uthe awaxola nawe, wesuka wenza imfazwe nawe, wowungqinga wena.
20:13b.DEU.020.013 Ukuba uthe uYehova uThixo wakho wawunikela esandleni sakho, woyibulala yonke into eyindoda kuwo ngohlangothi lwekrele;
20:14b.DEU.020.014 kodwa abafazi, nabantwana, neenkomo, neento zonke ezithe zabakho kuloo mzi, amaxhoba awo onke, wowathimbela kuwe, uwadle amaxhoba eentshaba zakho akunikileyo uYehova uThixo wakho.
20:15b.DEU.020.015 Uya kwenjenjalo kuyo yonke imizi ekude kakhulu kuwe, engeyiyo yona imizi yezi ntlanga.
20:16b.DEU.020.016 Kodwa emizini yezi zizwe akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ibe lilifa, uze ungasindisi nanye into ephefumlayo.
20:17b.DEU.020.017 Wowasingela phantsi kanye amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, njengoko wakuwiselayo umthetho uYehova uThixo wakho;
20:18b.DEU.020.018 ukuze banganifundisi ukwenza amasikizi abo onke abawenze koothixo babo; none kuYehova uThixo wenu.
20:19b.DEU.020.019 Xa nithe ke nenza iintsuku niwungqingile umzi, nisilwa nawo ukuba niwuhluthe, uze ungayonakalisi imithi yawo ngokuyixabela ngezembe; kuba uya kudla kuyo. Uze ungayigawuli; kuba umthi wasendle ungumntu na, ukuba ungqingwe nguwe?
20:20b.DEU.020.020 Ngumthi owaziyo ukuba asimthi udliwayo wodwa owowonakalisa, uwugawule, wakhe izinto zokungqinga umzi olwa nawo, ude uwe.
21
21:1b.DEU.021.001 Xa kuthe kwafunyanwa obuleweyo kuwo umhlaba akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba uwume, equngquluzile endle, akwaziwa ukuba ubulewe ngubani na:
21:2b.DEU.021.002 ophuma amadoda amakhulu akowenu, nabagwebi bakowenu, alinganise, asingise emizini emjikelezileyo lowo ubuleweyo.
21:3b.DEU.021.003 Kothi ke, umzi osondeleyo kobuleweyo, amadoda amakhulu aloo mzi athabathe ithokazi lenkomo, elingasetyenziswanga, elingatsalanga ngadyokhwe;
21:4b.DEU.021.004 ahle amadoda amakhulu nethokazi, aye emfuleni ohlala unamanzi, ongalinywanga, ongahlwayelwanga, alaphule intamo ithokazi emfuleni apho.
21:5b.DEU.021.005 Bofika ababingeleli, oonyana bakaLevi; ngokuba unyule bona uYehova uThixo wakho, ukuba balungiselele kuye, basikelele egameni likaYehova; kume ngokomlomo wabo ukubambana konke, nokubetha konke.
21:6b.DEU.021.006 Onke amadoda amakhulu aloo mzi usondeleyo kobuleweyo ozihlamba izandla zawo phezu kwethokazi, elaphulwe intamo emfuleni apho;
21:7b.DEU.021.007 aphendule, athi, Izandla zethu aziliphalazanga eli gazi, namehlo ethu akabonanga;
21:8b.DEU.021.008 camagu, Yehova, kubantu bakho amaSirayeli owawakhululayo; musa ukubeka igazi elingenatyala phakathi kwabantu bakho amaSirayeli. Bolicanyagushelwa ke igazi.
21:9b.DEU.021.009 Wolitshayela ke wena igazi elingenatyala, lingabikho phakathi kwakho, xa uthe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova.
21:10b.DEU.021.010 Xa uthe waphuma, waya kulwa neentshaba zakho, wazinikela uYehova uThixo wakho esandleni sakho, wathimba abathinjwa kuzo,
21:11b.DEU.021.011 wabona phakathi kwabathinjwa intokazi emzimba mhle, wathana nca nayo, wayizeka yaba ngumkakho:
21:12b.DEU.021.012 woyingenisa phakathi endlwini yakho, ichebe intloko yayo, inqumle iinzipho zayo,
21:13b.DEU.021.013 iyisuse kuyo ingubo yokuthinjwa kwayo, ihlale endlwini yakho, imlilele uyise nonina inyanga iphela. Emveni koko woyingena, ube yindoda yayo, yona ibe ngumkakho.
21:14b.DEU.021.014 Kothi ukuba uthe akwayinanza, uyindulule iye ekuthandeni kwayo; ungakhe uthengise ngayo ngemali, ungayiphathi kakubi, uyonile nje.
21:15b.DEU.021.015 Xa ithe indoda yanabafazi ababini, omnye ethandwa, omnye ethiyiwe, bayizalela oonyana, lowo uthandwayo nalowo uthiyiweyo; ke unyana wamazibulo waba ngowothiyiweyo:
21:16b.DEU.021.016 kothi mini ibabela ilifa lento enayo oonyana bayo, ingabi nako ukumenza owamazibulo unyana wothandwayo, phambi konyana wothiyiweyo ongowamazibulo;
21:17b.DEU.021.017 kuba owamazibulo, unyana lo wothiyiweyo, yomazalelela, imnike izahlulo ezibini zento yonke eya kufunyanwa inayo; ngokuba eyingqalo yokuqina kwayo, bulunge nayo ubuzibulo.
21:18b.DEU.021.018 Xa indoda ithe yanonyana oyinjubaqa, oneenkani, ongaliphulaphuliyo ilizwi likayise nelizwi lonina, bambetha, akabaphulaphula noko:
21:19b.DEU.021.019 uyise nonina bombamba baphume naye, baye kumadoda amakhulu omzi wakowabo, nasesangweni laloo ndawo yakowabo;
21:20b.DEU.021.020 bathi kumadoda amakhulu omzi wakowabo, Lo nyana wethu yinjubaqa, uneenkani, akaliphulaphuli ilizwi lethu, ulidla-kudla, ulinxila.
21:21b.DEU.021.021 Omgibisela ngamatye onke amadoda omzi wakowabo, afe; ubutshayeleke ububi, bungabikho phakathi kwakho, eve onke amaSirayeli, oyike
21:22b.DEU.021.022 Xa ithe indoda yaba nesono esifanelwe kukufa, yabulawa, yaxhonywa emthini,
21:23b.DEU.021.023 isidumbu sayo masingalali emthini. Wosingcwaba kwangaloo mini, ngokuba oxhonyiweyo usisiqalekiso kuThixo; uze ungawenzi inqambi umhlaba wakho akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ube lilifa.
22
22:1b.DEU.022.001 Uze ungathi, uyibona inkomo yomzalwana wakho, nokuba yigusha yakhe, ilahleka, uzisithelise kuyo; woyibuyisela nokuba kutheni kumzalwana wakho.
22:2b.DEU.022.002 Ke, ukuba akasondelelene nawe umzalwana wakho, akumazi, wozihlanganisela ekhayeni lakho, zibe kuwe, ade azifune umzalwana wakho, uzibuyisele kuye ke.
22:3b.DEU.022.003 Uya kwenjenjalo kwiesile lakhe, wenjenjalo kwingubo yakhe, wenjenjalo kwinto yonke yomzalwana wakho elahlekileyo, ethe yalahleka kuye wayifumana wena; akunakuzisithelisa kuyo.
22:4b.DEU.022.004 Uze ungathi, ulibona iesile lomzalwana wakho, nokuba yinkomo yakhe, iwile endleleni, uzisithelise kuyo; womncedisa ukuyivusa.
22:5b.DEU.022.005 Impahla yendoda ize inganxitywa yinkazana, nendoda ize ingazinxibi iingubo zenkazana; ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza ezo zinto.
22:6b.DEU.022.006 Xa uthe waqubisana nendlu yentaka endleleni, nokuba kusemthini, nokuba kusemhlabeni, nokuba imathole, nokuba imaqanda, unina ehleli phezu kwamathole lawo, nokuba kuphezu kwamaqanda: uze ungamthabathi unina kunye namathole.
22:7b.DEU.022.007 Womndulula unina lowo, uzithabathele amathole lawo, ukuze kulunge kuwe, uyolule imihla yakho.
22:8b.DEU.022.008 Xa uthe wakha indlu entsha, wolwenzela ungqameko uphahla lwakho, ukuze ungazisi magazi endlwini yakho, xa athe wawa owayo kuyo.
22:9b.DEU.022.009 Uze ungasihlwayeli isidiliya sakho iintlobo ezimbini zeembewu; hleze inzala yembewu oyihlwayeleyo, kunye nongeniselo lwesidiliya eso, lulunge kwindawo engcwele.
22:10b.DEU.022.010 Uze ungalimi ngenkomo ne-esile kunye.
22:11b.DEU.022.011 Uze ungambathi ingubo engumxube, uboya nelinen ndawonye.
22:12b.DEU.022.012 Uze uzenzele iintshinga emasondweni omane engubo ozigubungela ngayo.
22:13b.DEU.022.013 Xa indoda ithe yazeka umfazi, yamngena, yaza yamthiya,
22:14b.DEU.022.014 yathetha ngaye iintlondi ezibangela intetho, yamvelisela igama elibi, yathi, Ndimzekile lo mfazi, ndasondela kuye, andazifumana iimpawu zobuntombi kuye:
22:15b.DEU.022.015 uyise wentombi nonina bozithabatha iimpawu zobuntombi bentombi leyo, baphume nazo bazise kumadoda amakhulu omzi esangweni.
22:16b.DEU.022.016 Wothi uyise wentombi kumadoda amakhulu, Intombi yam ndiyinikelo mfo ukuba ibe ngumkakhe, wayithiya;
22:17b.DEU.022.017 yabonani, uthethe iintlondi ezibangela intetho, esithi, Andizifumananga iimpawu zobuntombi entombini yakho; ke nanzi iimpawu zobuntombi bentombi yam. Boyaneka ke ingubo enazo phambi kwamadoda amakhulu omzi.
22:18b.DEU.022.018 Amadoda amakhulu aloo mzi omthabatha loo mfo, ambethe,
22:19b.DEU.022.019 amhlahlise ikhulu leeshekele zesilivere, anike uyise wentombi; ngokuba wayivelisela igama elibi intombi yakwaSirayeli; ibe ngumkakhe ke. Akayi kuba nakuyala yonke imihla yakhe.
22:20b.DEU.022.020 Ke ukuba eli lizwi lithe layinyaniso, azafumaneka iimpawu zobuntombi baloo ntombi,
22:21b.DEU.022.021 oyikhupha loo ntombi, ayimise ngasemnyango wendlu kayise, ayigibisele ngamatye amadoda omzi wakowayo, ife; ngokuba yenze ubudenge kwaSirayeli, yahenyuza endlwini kayise; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwenu.
22:22b.DEU.022.022 Xa indoda ithe yafunyanwa imlele umkamntu, bofa bobabini, loo ndoda ilele naloo mfazi, nomfazi lowo; ubutshayele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli.
22:23b.DEU.022.023 Xa kuthe kwakho inkazana eyintombi eganelwe indoda, wayifumana umfo phakathi komzi, wayilala:
22:24b.DEU.022.024 nobakhupha bobabini nibamise ngasesangweni laloo mzi, nibaxulube ngamatye, bafe; inkazana leyo, ngenxa yokuba ingakhalanga iphakathi komzi; umfo lowo, ngenxa yokuba emonile umfazi wommelwane wakhe; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
22:25b.DEU.022.025 Ukuba umfo uthe wayifumana endle intombi eseliganiwe, wayibamba loo mfo, wayilala, wofa yedwa loo mfo uyileleyo.
22:26b.DEU.022.026 Uze ungayenzi into intombi leyo; akukho sono silingenwe kukufa entombini; ngokuba njengoko indoda ithi imvunukele ummelwane wayo, imbulale afe, injalo le ndawo.
22:27b.DEU.022.027 Ngokuba uyifumene endle, yakhala intombi eganiweyo, akwabakho uyisindisayo.
22:28b.DEU.022.028 Xa umfo athe wayifumana intombi eyintombi engaganiweyo, wayibamba, wayilala; kwafumaneka ukuba kunjalo:
22:29b.DEU.022.029 loo mfo uyileleyo womnika uyise wentombi amashumi omahlanu eeshekele zesilivere, ibe ngumkakhe, ngenxa yokuba eyonile. Akanakuyala yonke imihla yakhe.
22:30b.DEU.022.030 Indoda mayingamzeki umkayise, ingalityhili isondo lengubo kayise.
23
23:1b.DEU.023.001 Makangangeni ebandleni likaYehova olinyazwe ngokutyunyuzwa amasende, nonqanyulwe ubudoda.
23:2b.DEU.023.002 Makungangeni mgqakhwe ebandleni likaYehova; nesizukulwana sawo seshumi masingangeni ebandleni likaYehova.
23:3b.DEU.023.003 Makangangeni ebandleni likaYehova umAmon nomMowabhi; nesizukulwana sabo seshumi masingangeni ebandleni likaYehova naphakade;
23:4b.DEU.023.004 ngenxa yokuba benganikhawulelanga ngesonka nangamanzi endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa; nangenxa enokuba bakuqeshela uBhileham unyana kaBhehore, wasePetore kwa-Aram phakathi kwemiLambo, ukuba akuqalekise.
23:5b.DEU.023.005 Akavuma ke uYehova uThixo wakho ukumphulaphula uBhileham; usuke uYehova uThixo wakho wakuguqulela isiqalekiso saba yintsikelelo; ngokuba ubekhuthanda uYehova uThixo wakho.
23:6b.DEU.023.006 Uze ungalukhathaleli naphakade uxolo lwabo nokuhlala kwabo kakuhle, yonke imihla yakho.
23:7b.DEU.023.007 Aze angabi lisikizi kuwe umEdom, ngokuba ngumzalwana wakho; aze angabi lisikizi kuwe umYiputa, ngokuba ube ungumphambukeli ezweni lakhe.
23:8b.DEU.023.008 Oonyana abathe babazala, abasisizukulwana sabo sesithathu, bongena ebandleni likaYehova.
23:9b.DEU.023.009 Xa uthe waphuma umkhosi, waya ezintshabeni zakho, uze uzigcine kwinto yonke embi.
23:10b.DEU.023.010 Xa kuthe kwakho kuwe indoda engahlambulukileyo, ngenxa yento eyihleleyo ebusuku, yophuma iye ngaphandle kweminquba; mayingangeni phakathi kweminquba.
23:11b.DEU.023.011 Kothi, xa kuhlwayo, ihlambe ngamanzi; ithi lakutshona ilanga, ingene ke ngaphakathi kweminquba.
23:12b.DEU.023.012 Woba nendawo engaphandle kweminquba, uphume ke uye khona endle.
23:13b.DEU.023.013 Uze ube nolugxa empahleni yakho; kuthi ekuhlaleni phantsi kwakho endle, umbe ngalo, uhlale phantsi, ukuselele okuphuma kuwe;
23:14b.DEU.023.014 ngokuba uYehova uThixo wakho uhambahamba phakathi kweminquba yakho, ukuba akuhlangule, azinikele iintshaba zakho kuwe. Ize icokiseke iminquba yakho, angaboni nto iziintloni kuwe, ajike emke kuwe.
23:15b.DEU.023.015 Uze ungasinikeli enkosini yaso isicaka esisabele kuwe, sisuka enkosini yaso.
23:16b.DEU.023.016 Sohlala nawe phakathi kwenu, kuloo ndawo sithe sayinyula kwelinye isango emasangweni akho, apho kusilungele khona; uze ungasixinzeleli phantsi.
23:17b.DEU.023.017 Makungabikho ngawukazi kwindawo engcwele ezintombini zakwaSirayeli; makungabikho sifebe kwindawo engcwele koonyana bakaSirayeli.
23:18b.DEU.023.018 Uze ungalungenisi utsheqo lwehenyukazi nomvuzo wenja endlwini kaYehova uThixo wakho, ngenxa yesibhambathiso nokuba sisiphi; ngokuba zingamasikizi kuYehova zombini ezo zinto.
23:19b.DEU.023.019 Uze ungambizi nzala umzalwana wakho: nzala yamali, nzala yakutya, nzala nokuba yeyani ekubizwa inzala ngayo.
23:20b.DEU.023.020 Wobiza inzala kowolunye uhlanga; uze ungabizi nzala kumzalwana wakho, ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho ezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho, kulo ilizwe ongena kulo ukuba ulime.
23:21b.DEU.023.021 Xa uthe wabhambathisa isibhambathiso kuYehova uThixo wakho, uze ungalibali ukusizalisa; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kusibiza kuwe, kube sisono kuwe.
23:22b.DEU.023.022 Ke xa uthe wayeka, akwabhambathisa, akuyi kuba sono oko kuwe.
23:23b.DEU.023.023 Okuphume emlonyeni wakho kugcine, ukwenze; njengoko ubhambathise ngako kuYehova uThixo wakho ngokuqhutywa yintliziyo, wakuthetha ngomlomo wakho.
23:24b.DEU.023.024 Xa uthe wangena esidiliyeni sommelwane wakho, ungayidla idiliya uzifikisele, uhluthe, kodwa ungagaleli esityeni sakho.
23:25b.DEU.023.025 Xa uthe wangena engqoloweni yommelwane wakho, engekavunwa, wokha izikhwebu ngesandla sakho; ungafaki rhengqa engqoloweni yommelwane wakho engekavunwa.
24
24:1b.DEU.024.001 Xa ithe indoda yazeka umfazi, yayindoda yakhe, kothi ke ukuba uthe akafumana ukubabalwa emehlweni ayo, ngokuba ifumene iindawo eziziintloni kuye, yambhalela incwadi yokumala, yamnikela esandleni, yamgxotha endlwini yayo;
24:2b.DEU.024.002 waphuma endlwini yayo, waya waba ngowandoda yimbi; yamthiya le ndoda iyiyimbi,
24:3b.DEU.024.003 yambhalela incwadi yokumala, yamnikela esandleni, yamgxotha endlwini yayo; nokuba ithe yafa le ndoda iyiyimbi yamzekayo wangumkayo:
24:4b.DEU.024.004 mayingabi nako indoda yakhe yokuqala eyamgxothayo, ukubuya imzeke abe ngumkayo, emveni kokuba enziwe inqambi; ngokuba lisikizi elo kuYehova. Uze ungalenzi, ukuba lone ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa.
24:5b.DEU.024.005 Xa indoda ithe yazeka umfazi omtsha, mayingaphumi nomkhosi, ingaphathiswa msebenzi nawuphi. Yokhululeka ngenxa yendlu yayo umnyaka ube mnye, ivuyisane nomkayo emzekileyo.
24:6b.DEU.024.006 Makangenziwa sibambiso amatye okusila, nokuba lelingaphezulu, kuba oko kukubambisa ngomphefumlo.
24:7b.DEU.024.007 Xa ithe indoda yafunyanwa isiba umntu ebazalwaneni bayo, oonyana bakaSirayeli, imphathe kakubi, ithengise ngaye njengekhoboka: malife elo sela; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
24:8b.DEU.024.008 Zigcine esibethweni seqhenqa, ugcine kunene, wenze ngokwezinto zonke abaya kuniyala ngazo ababingeleli, abaLevi; njengoko ndabawisela umthetho, nigcine ukwenza.
24:9b.DEU.024.009 Khumbula oko uYehova uThixo wakho wakwenza kuMiriyam endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa.
24:10b.DEU.024.010 Xa uthe wamboleka ummelwane wakho nokuba yintoni ebolekwayo, uze ungangeni endlwini yakhe, uye kuthabatha isibambiso kuye.
24:11b.DEU.024.011 Uze ume ngaphandle, ithi loo ndoda uyibolekayo iphume, isizise kuwe isibambiso eso.
24:12b.DEU.024.012 Ukuba indoda ithe yaba iswele, uze ungalali unesibambiso sayo;
24:13b.DEU.024.013 wosibuyisela kuyo isibambiso eso ukutshona kwelanga, ilale ngengubo yayo, ikusikelele, ube nobulungisa phambi koYehova uThixo wakho.
24:14b.DEU.024.014 Uze ungamcudisi umqeshwa ongaba uswele, olihlwempu, nokuba ngowabazalwana bakho, nokuba ngowabaphambukeli bakho abasezweni lakho, emasangweni akho.
24:15b.DEU.024.015 Ngemini yakhe womnika umvuzo wakhe, lingatshoni ilanga usekuwe; ngokuba eswele, ewumise umphefumlo wakhe kuwo; hleze akhale ngawe kuYehova, oko ke kube sisono kuwe.
24:16b.DEU.024.016 Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana; oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesono sakhe.
24:17b.DEU.024.017 Uze ungasijiki isigwebo sowasemzini nesenkedama; ungayenzi isibambiso ingubo yomhlolokazi.
24:18b.DEU.024.018 Khumbula ukuba ube ulikhoboka eYiputa. UYehova uThixo wakho wakukhulula khona; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ukuba uyenze le nto.
24:19b.DEU.024.019 Xa uthe waluvuna uvuno lwakho entsimini yakho, walibala isithungu entsimini, uze ungabuyi uye kusithabatha; soba sesomphambukeli, nesenkedama, nesomhlolokazi, ukuze uYehova uThixo wakho akusikelele emsebenzini wonke wezandla zakho.
24:20b.DEU.024.020 Xa uthe wawuvuthulula umnquma wakho, uze ungaphindi uwavuthulule amasebe emva kwakho; woba ngowomphambukeli, nowenkedama, nowomhlolokazi.
24:21b.DEU.024.021 Xa uthe wasivuna isidiliya sakho, uze ungasibhikici emva kwakho; soba sesomphambukeli, nesenkedama, nesomhlolokazi;
24:22b.DEU.024.022 ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa. Ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ukuba uyenze le nto.
25
25:1b.DEU.025.001 Xa kuthe kwabambana amadoda, kweziwa ematyaleni ukuba lithethwe ityala lawo, ize igwetyelwe elilungisa, igwetywe engendawo;
25:2b.DEU.025.002 kothi ke, ukuba ithe engendawo yafanelwa kukubethwa umgwebi ayilalise phantsi, ibethwe phambi kwakhe, ngokulingene nokungabi ndawo kwayo, ngokwenani.
25:3b.DEU.025.003 Yobethwa imivumbo emashumi mane, kungongezwa; hleze kwakongezwa yabethwa imivumbo emininzi ngaphezu kwaleyo, acukucezeke umzalwana wakho emehlweni akho.
25:4b.DEU.025.004 Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula.
25:5b.DEU.025.005 Xa bathe bahlala ndawonye abantu bezalana, wafa omnye kubo engenanyana, umfazi wofileyo makangendeli kwindoda yasemzini, yangaphandle; ozalana nendoda yakhe maze amngene, amzeke, abe ngumkakhe, enze kuye okozalana nendoda yakhe.
25:6b.DEU.025.006 Wothi ke owamazibulo, athe wamzala, eme egameni lomfi lowo, lingacinywa igama lakhe kwaSirayeli.
25:7b.DEU.025.007 Ke ukuba indoda leyo ithe ayakunanza ukumzeka umkamfi lowo, wonyuka umkamfi lowo, aye esangweni kumadoda amakhulu, athi, Laa mntu uzalana nendoda yam akavumi ukumvelisela umntakayise igama kwaSirayeli, akavumi ukwenza kum okozalana nendoda.
25:8b.DEU.025.008 Oyibiza ke amadoda amakhulu omzi wayo, athethe kuyo; ime, ithi, Andikunanzile ukumzeka;
25:9b.DEU.025.009 afike kuyo umkamfi lowo phambi kwamadoda amakhulu, ayikhulule imbadada elunyaweni lwayo, ayitshicele ebusweni, aphendule athi, Makwenjiwe nje kwindoda engayi kuyakha indlu yomntu ozalana nayo.
25:10b.DEU.025.010 Kothiwa ke igama layo kwaSirayeli nguNdlw-ikhululwe-imbadada.
25:11b.DEU.025.011 Xa kuthe kwantlalana amadoda amabini, umntu nomzalwana wakhe, wasondela umfazi wenye, ukuba ahlangule indoda yakhe esandleni seyibethayo, wolula isandla sakhe, wayibamba ngamaphambili,
25:12b.DEU.025.012 wosinqumla isandla sakhe, lingabi nanceba iliso lakho.
25:13b.DEU.025.013 Uze ungabi namatye ngamatye okulinganisa engxoweni yakho, amakhulu namancinane.
25:14b.DEU.025.014 Uze ungabi nee-efa ngee-efa endlwini yakho, enkulu nencinane;
25:15b.DEU.025.015 uze ube nelitye elizalisekileyo, elilelobulungisa; uze ube ne-efa ezalisekileyo, eyiyeyobulungisa, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni lowo akunikayo uYehova uThixo wakho.
25:16b.DEU.025.016 Ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza loo nto, bonke abenza ubumenemene.
25:17b.DEU.025.017 Khumbula loo nto wayenzayo uAmaleki kuwe endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa;
25:18b.DEU.025.018 owakuhlangabezayo ngendlela, wabetha kuwo umqosheliso wakho, bonke abaphelelweyo abasemva kuwe, utyhafile, udiniwe; akamoyika uThixo.
25:19b.DEU.025.019 Kothi, ekukuphumzeni kukaYehova uThixo wakho ezintshabeni zakho zonke ngeenxa zonke, ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa ulime, usicime isikhumbuzo sika Amaleki phantsi kwezulu; uze unga libali.
26
26:1b.DEU.026.001 Kothi, xa uthe wangena ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, walihlutha, wema kulo:
26:2b.DEU.026.002 uthabathe inxenye yolibo lweziqhamo zonke zomhlaba oya kuzingenisa, ziphuma ezweni lakho akunikayo uYehova uThixo wakho, uzibeke engobozini; uye kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela, ukuba alibeke khona igama lakhe;
26:3b.DEU.026.003 uye kumbingeleli othe wakho ngaloo mihla, uthi kuye, Ndiyaxela namhla kuYehova uThixo wakho, ukuba ndingenile kulo ilizwe, awafungayo uYehova koobawo ukuba wosinika lona.
26:4b.DEU.026.004 Woyithabatha ke umbingeleli ingobozi esandleni sakho. ayibeke phantsi phambi kwesibingelelo sikaYehova uThixo wakho.
26:5b.DEU.026.005 Uze uphendule ke uthi phambi koYehova uThixo wakho, EbengumAram ochithakeleyo ubawo. Wehla waya eYiputa, waphambukela khona, ebantu bambalwa; waba luhlanga ke khona olukhulu olunamandla, oluninzi.
26:6b.DEU.026.006 Asiphatha kakubi amaYiputa, asicinezela, abeka umsebenzi onzima phezu kwethu.
26:7b.DEU.026.007 Sakhala kuYehova uThixo woobawo, waliphulaphula uYehova ilizwi lethu; wazibona iintsizi zethu, nokwaphuka kwethu, nokuxinwa kwethu.
26:8b.DEU.026.008 Wasikhupha uYehova eYiputa ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangokoyikeka okukhulu, nangemiqondiso, nangezimanga;
26:9b.DEU.026.009 wasingenisa kule ndawo, wasinika eli lizwe, ilizwe elibaleka amasi nobusi.
26:10b.DEU.026.010 Kaloku ke, nanku ndizise ulibo lweziqhamo zomhlaba lowo undinikileyo, Yehova. Uze uyibeke phantsi phambi koYehova uThixo wakho, uqubude phambi koYehova uThixo wakho;
26:11b.DEU.026.011 uvuye nendlu yakho ezintweni zonke ezilungileyo akunikileyo uYehova uThixo wakho, wena, nomLevi, nomphambukeli ophakathi kwenu.
26:12b.DEU.026.012 Xa uthe wagqiba ukunikela isishumi sonke songeniselo lwakho ngomnyaka wesithathu, ongumnyaka wezishumi wamnika umLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi, badla emasangweni akho, bahlutha:
26:13b.DEU.026.013 wothi phambi koYehova uThixo wakho, Ndiyikhuphe kwee tu into engcwele endlwini yam; kananjalo ndimnikile umLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi, ngokomthetho wakho wonke ondiwiseleyo; andigqithanga emithethweni yakho, andilibalanga nto.
26:14b.DEU.026.014 Andidlanga nto kuyo esililweni sam, andikhuphanga nto kuyo ebunqambini bam, andinikanga nto yayo ngenxa yofileyo. Ndiliphulaphule ilizwi likaYehova uThixo wam, ndenza ngako konke andiwisele umthetho ngako.
26:15b.DEU.026.015 Vela ekhayeni lakho elingcwele emazulwini, uqondele, ubasikelele abantu bakho, amaSirayeli, nomhlaba lo usinikileyo, njengoko wafungayo koobawo, ilizwe elibaleka amasi nobusi.
26:16b.DEU.026.016 Namhlanje uYehova uThixo wakho ukuwisele umthetho, ukuba uyenze le mimiselo nala masiko; uwagcine ke, uwenze ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke.
26:17b.DEU.026.017 UYehova namhla umbangile wathi unguThixo kuwe, nokuba wena wohamba ngeendlela zakhe, uyigcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, uliphulaphule izwi lakhe.
26:18b.DEU.026.018 NoYehova namhla unibangile nina, wathi ningabantu abayinqobo kuye, njengoko wathethayo kuni, ukuze niyigcine yonke imithetho yakhe;
26:19b.DEU.026.019 aniphakamise ngaphezu kweentlanga zonke azenzileyo, ukuba nibe yindumiso, negama, nendili; nibe ngabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu, njengoko wakuthethayo.
27
27:1b.DEU.027.001 UMoses namadoda amakhulu akwaSirayeli abawisela abantu umthetho, esithi, Wugcineni wonke umthetho endiniwiselayo namhla.
27:2b.DEU.027.002 Wothi, ngemini enithe nayiwela iYordan, nangena kwelo zwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uzimisele amatye amakhulu, uwaqabe ngefutha,
27:3b.DEU.027.003 ubhale kuwo onke amazwi alo myalelo, wakuba uwelile; ukuze ungene kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo, ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko uYehova uThixo woyihlo wathethayo kuwe.
27:4b.DEU.027.004 Nothi, nakuyiwela iYordan, nimise la matye ndiniwisela umthetho ngawo namhla, entabeni ye-Ebhali, uwaqabe ngefutha;
27:5b.DEU.027.005 wakhele apho isibingelelo kuYehova uThixo wakho, isibingelelo samatye; ungasiphakamiseli ntlabo yantsimbi.
27:6b.DEU.027.006 Wosakha ngamatye awonke isibingelelo sikaYehova uThixo wakho, unyuse phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova uThixo wakho;
27:7b.DEU.027.007 ubingelele imibingelelo yoxolo, udle khona, uvuye phambi koYehova uThixo wakho;
27:8b.DEU.027.008 uwabhale uwalungise ematyeni lawo onke amazwi alo myalelo kakuhle.
27:9b.DEU.027.009 UMoses nababingeleli abaLevi bathetha ke kumaSirayeli onke, besithi, Yithi cwaka, uve, Sirayeli! Namhla nithe naba ngabantu kuYehova uThixo wakho;
27:10b.DEU.027.010 uze uliphulaphule izwi likaYehova uThixo wakho, wenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe, endikuwiselayo namhla.
27:11b.DEU.027.011 UMoses wabawisela abantu umthetho ngaloo mini, esithi,
27:12b.DEU.027.012 Aba baya kuma basikelele abantu, entabeni yeGerizim, nakuyiwela iYordan: uSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noYosefu, noBhenjamin:
27:13b.DEU.027.013 aba baya kuma baqalekise, entabeni ye-Ebhali: uRubhen, noGadi, noAshere, noZebhulon, noDan, noNafetali.
27:14b.DEU.027.014 Bohlabela abaLevi, bathi kuwo onke amadoda akwaSirayeli ngezwi elikhulu:
27:15b.DEU.027.015 Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen.
27:16b.DEU.027.016 Uqalekisiwe ocukuceza uyise nokuba ngunina; bathi bonke abantu, Amen.
27:17b.DEU.027.017 Uqalekisiwe oshenxisa umlimandlela wommelwane wakhe; bathi bonke abantu, Amen.
27:18b.DEU.027.018 Uqalekisiwe olahlekisa imfama endleleni; bathi bonke abantu, Amen.
27:19b.DEU.027.019 Uqalekisiwe ojika isigwebo somphambukeli nenkedama nomhlolokazi; bathi bonke abantu, Amen.
27:20b.DEU.027.020 Uqalekisiwe olala nomkayise; ngokuba utyhila isondo lengubo kayise; bathi bonke abantu, Amen.
27:21b.DEU.027.021 Uqalekisiwe olala nantoni ezitho zine; bathi bonke abantu, Amen.
27:22b.DEU.027.022 Uqalekisiwe olala nodade wabo, nokuba yintombi kayise, nokuba yintombi kanina; bathi bonke abantu, Amen.
27:23b.DEU.027.023 Uqalekisiwe olala nomkhwekazi wakhe; bathi bonke abantu, Amen.
27:24b.DEU.027.024 Uqalekisiwe ombulalayo ummelwane wakhe ngasese; bathi bonke abantu, Amen.
27:25b.DEU.027.025 Uqalekisiwe osamkelayo isicengo sokubulala umntu, igazi elingenatyala; bathi bonke abantu, Amen.
27:26b.DEU.027.026 Uqalekisiwe ongawamisiyo amazwi alo myalelo ukuba awenze; bathi bonke abantu, Amen.
28
28:1b.DEU.028.001 Kothi, ukuba uthe waliphulaphula ngenkuthalo izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba ugcine wenze yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla, uYehova uThixo wakho akuphakamise ngaphezu kweentlanga zonke zehlabathi;
28:2b.DEU.028.002 zibe phezu kwakho ezi ntsikelelo zonke, zikufumane, xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho:
28:3b.DEU.028.003 Wosikelelwa phakathi komzi, usikelelwe emaphandleni;
28:4b.DEU.028.004 sisikelelwe isiqhamo sesizalo sakho, nesiqhamo somhlaba wakho, nesiqhamo sempahla yakho ezitho zine, nenkonyana yenkomo yakho, namatakane empahla yakho emfutshane isikelelwe ingobozi yakho,
28:5b.DEU.028.005 nomkhombe wakho wokuxovulela intlama.
28:6b.DEU.028.006 Wosikelelwa ekungeneni kwakho, usikelelwe ekuphumeni kwakho.
28:7b.DEU.028.007 UYehova wozinikela zixatyelwe phambi kwakho iintshaba zakho ezivukelana nawe; ziphume zisiza kuwe ngandlela-nye, zikubaleke ngeendlela ezisixhenxe.
28:8b.DEU.028.008 UYehova uya kuthetha intsikelelo, ibe nawe emaqongeni akho, nasezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho, akusikelele ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho.
28:9b.DEU.028.009 UYehova wonimisa nibe ngabantu abangcwele kuye, njengoko wakufungelayo, xa uthe wayigcina imithetho kaYehova uThixo wakho, wahamba ngeendlela zakhe;
28:10b.DEU.028.010 zibone zonke izizwe zehlabathi, ukuba igama likaYehova libizwe phezu kwakho, zikoyike.
28:11b.DEU.028.011 UYehova wokwandisela okulungileyo esiqhameni sesizalo sakho, nasesiqhameni sempahla yakho ezitho zine, nasesiqhameni somhlaba wakho, emhlabeni lowo awafungayo uYehova kooyihlo ukuba wokunika.
28:12b.DEU.028.012 UYehova wokuvulela uvimba wakhe olungileyo, izulu lilinike imvula ilizwe lakho ngexesha layo, awusikelele wonke umsebenzi wesandla sakho, uboleke iintlanga ezininzi, ungaboleki kuzo wena.
28:13b.DEU.028.013 UYehova wokwenza ube yintloko, ungabi ngumsila; ibe nguwe wedwa onyukayo, ungabi ngohlayo: xa uthe wayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wakho, endikuwiselayo namhla ukuba uyigcine, uyenze;
28:14b.DEU.028.014 akwatyeka emazwini onke endiniwisela umthetho ngawo namhla, uye ekunene nasekhohlo, ukulandela thixo bambi, ubakhonze.
28:15b.DEU.028.015 Ke Kothi, ukuba uyigcine uyenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe endikuwiselayo namhla, zize phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke zikufumane:
28:16b.DEU.028.016 Woqalekiswa phakathi komzi, uqalekiswe emaphandleni;
28:17b.DEU.028.017 iqalekiswe ingobozi yakho, nomkhombe wakho wokuxovulela intlama;
28:18b.DEU.028.018 siqalekiswe isiqhamo sesizalo sakho, nesiqhamo somhlaba wakho, nenkonyana yenkomo yakho, namatakane empahla yakho emfutshane.
28:19b.DEU.028.019 Woqalekiswa ekungeneni kwakho, uqalekiswe ekuphumeni kwakho.
28:20b.DEU.028.020 UYehova wokuthumela isiqalekiso, nokudungwadungwa, nokukhalinyelwa ezintweni zonke osa isandla sakho kuzo, ude utshabalale, ude ubhubhekuphele, ngenxa yobubi beentlondi zakho zokuba undishiyile.
28:21b.DEU.028.021 UYehova woyinamathelisa kuwe indyikitya yokufa, ade akuphelise, ungabikho phezu komhlaba lowo uya kuwo ukuba uwume.
28:22b.DEU.028.022 UYehova wokubetha ngesifo sephepha, nangecesina, nangokurhala, nangokuvutha komzimba, nangekrele, nangembabala, nangexoshomba, zikusukele ezo nto ude ubhubhe.
28:23b.DEU.028.023 Izulu lakho eliphezu kwentloko yakho loba lubhedu, umhlaba ophantsi kwakho ube sisinyithi.
28:24b.DEU.028.024 UYehova woyenza imvula yelizwe lakho ibe luthuthu nothuli, ihle ezulwini phezu kwakho ude utshabalale.
28:25b.DEU.028.025 UYehova wokunikela ubethwe ziintshaba zakho, uphume ngandlela-nye ukuya kuzo, uzibaleke ngeendlela ezisixhenxe, ube yinto yokufeketha ezikumkanini zonke zehlabathi;
28:26b.DEU.028.026 isidumbu sakho sibe kukudla kweentaka zonke zezulu, nokwamarhamncwa elizwe. kungabikho bani uphekuzayo.
28:27b.DEU.028.027 UYehova wokubetha ngethumba laseYiputa, nangezilonda, nangokhwekhwe, nangenjinana, ongayi kuba nako ukuphiliswa kuzo.
28:28b.DEU.028.028 UYehova wokubetha ngokubhuda nangobumfama, nangokuphambana ingqondo,
28:29b.DEU.028.029 uphuthaphuthe emini emaqanda, njengemfama iphuthaphutha esithokothokweni; ungabi nampumelelo ezindleleni zakho, ucudiswe kodwa, uphangwe yonke imihla, kungabikho bani ukusindisayo.
28:30b.DEU.028.030 Woziganela umfazi, alalwe ndoda yimbi; woyakha indlu ungayihlali; wotyala isidiliya ungasidli.
28:31b.DEU.028.031 Yoxhelwa inkomo yakho ukhangele, ungayidli; kohluthwa iesile lakho ebusweni bakho, lingabuyeli kuwe; yonikwa iintshaba zakho impahla yakho emfutshane, ungabi nabani uyihlangulayo.
28:32b.DEU.028.032 Bonikwa bantu bambi oonyana bakho neentombi zakho, akhangele amehlo akho, aphelele kubo imini yonke, singabi namandla isandla sakho.
28:33b.DEU.028.033 Isiqhamo somhlaba wakho, nokuxelenga kwakho konke, kodliwa ngabantu ongabaziyo, ucudiswe, uvikivwe kuphela yonke imihla;
28:34b.DEU.028.034 ubhudiswe kukubona akubonayo amehlo akho.
28:35b.DEU.028.035 UYehova wokubetha emadolweni nasemilenzeni ngamathumba amabi, ungabi nakuphiliswa kuwo, athabathele entendeni yonyawo lwakho ase elukakayini.
28:36b.DEU.028.036 UYehova wokusa wena, nokumkani wakho othe wammisa phezu kwakho, eluhlangeni eningalwaziyo wena nooyihlo, ukhonze khona apho thixo bambi, imithi namatye;
28:37b.DEU.028.037 ube ngummangaliso, nondaba-mlonyeni, nento yentsini, phakathi kwezizwe zonke athe uYehova wakuqhubela kuzo.
28:38b.DEU.028.038 Wophuma nembewu eninzi uye entsimini, uvune into encinane; ngokuba iya kunqunquthwa ziinkumbi.
28:39b.DEU.028.039 Wotyala izidiliya, uzisebenze, ungaseli wayini noko, ungavuni zidiliya; ngokuba ziya kudliwa ngukruxeshe.
28:40b.DEU.028.040 Woba neminquma emideni yakho yonke, ungazithambisi ngeoli noko; ngokuba iminquma yakho iya kunyothulwa.
28:41b.DEU.028.041 Wozala oonyana neentombi, ungabi nabo noko; ngokuba baya kuthinjwa.
28:42b.DEU.028.042 Yonke imithi yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, sohluthwa ziinkumbi.
28:43b.DEU.028.043 Owasemzini ophakathi kwakho wokunyuka, aye enyuka ngokunyuka; wena uye usihla ngokuhla.
28:44b.DEU.028.044 Wokuboleka yena, ungamboleki wena; woba yintloko yena, ube ngumsila wena.
28:45b.DEU.028.045 Zoza ke phezu kwakho ezo ziqalekiso zonke, zikusukele, zikufumane ude utshabalale; ngokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemimiselo yakhe akuwiseleyo;
28:46b.DEU.028.046 zibe ngumqondiso nezimanga kuwe, nakwimbewu yakho kude kuse ephakadeni;
28:47b.DEU.028.047 ngenxa yokuba ungamkhonzanga uYehova uThixo wakho ngokuvuya, nangokuchwayitha kwentliziyo, ngenxa yobuninzi bezinto zonke.
28:48b.DEU.028.048 Wokhonza iintshaba zakho, ezo aya kuzithumela kuwe uYehova, ulambile, unxaniwe, uhamba ze, uswele zonke izinto, abeke idyokhwe yesinyithi entanyeni yakho, ade akutshabalalise.
28:49b.DEU.028.049 UYehova wokuzisela uhlanga oluvela kude, esiphelweni sehlabathi, olutshwebeleza njengokhozi; uhlanga olulwimi ungayi kuluva;
28:50b.DEU.028.050 uhlanga olubuso bungwanyalala, olungakhethi buso bandoda inkulu, olungabi nakubabala namfama.
28:51b.DEU.028.051 Lodla isiqhamo senkomo yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, ude utshabalale; lungakushiyeli ngqolowa, nawayini intsha, naoli, nankonyana yankomo yakho, namatakane empahla yakho emfutshane, lude lukuchithe.
28:52b.DEU.028.052 Lokungqinga emasangweni akho onke, zide ziwe iindonga zakho eziphakamileyo, ezinqabileyo, okholose ngazo, ezweni lakho lonke; lukungqinge ke emasangweni akho onke, ezweni lakho lonke, akunikileyo uYehova uThixo wakho;
28:53b.DEU.028.053 udle isiqhamo sesizalo sakho, inyama yoonyana bakho neentombi zakho akunikileyo uYehova uThixo wakho, ekungqingweni, nasekuxinweni, olokuxina ngako utshaba lwakho.
28:54b.DEU.028.054 Indoda esisifebe, ebixhamla ubuncwane kunene phakathi kwakho, yomkhangela ngeliso elibi umzalwana wayo, nomfazi wesifuba sayo, namasalela abantwana bayo abasaseleyo;
28:55b.DEU.028.055 ngokokuze inganiki namnye kubo into yenyama yabantwana bayo eyidlayo, ngenxa yokuba ingashiyelwanga nto ekungqingweni nasekuxinweni, olokuxina ngako utshaba lwakho emasangweni akho onke.
28:56b.DEU.028.056 Intokazi elingawukazi, exhamle ubuncwane phakathi kwakho, ebingalingi ukubeka intende yonyawo lwayo emhlabeni, ngenxa yokuxhamla ubuncwane, nangenxa yokuba ilingawukazi, yoyikhangela ngeliso elibi indoda yesifuba sayo,
28:57b.DEU.028.057 nonyana wayo, nentombi yayo, ngenxa yomkhaya wayo ophuma phakathi kweenyawo zayo, nangenxa yabantwana bayo ethe yabazala; kuba yobadla ngasese ekuswelekeni kweento zonke, ekungqingweni nasekuxinweni olokuxina ngako utshaba lwakho emasangweni akho.
28:58b.DEU.028.058 Ukuba uthe akwagcina ukuwenza onke amazwi alo myalelo, abhaliweyo kule ncwadi, ukuba uloyike eli gama lizukileyo, loyikekayo, uYehova uThixo wakho:
28:59b.DEU.028.059 uYehova wozenza zibaluleke izibetho zakho, nezibetho zembewu yakho, zibe zizibetho ezikhulu ezihlala zihleli, nezifo ezibi ezihlala zihleli;
28:60b.DEU.028.060 akubuyisele ke bonke ubulwelwe baseYiputa owanxunguphala bubo, buthi nama kuwe.
28:61b.DEU.028.061 Nazo zonke izifo nezibetho zonke ezingabhaliweyo encwadini yalo myalelo, wozinyusa uYehova phezu kwakho ude utshabalale;
28:62b.DEU.028.062 nisale nibantu bambalwa, esikhundleni sokuba naningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi; ngokuba ungaliphulaphulanga izwi likaYehova uThixo wakho.
28:63b.DEU.028.063 Kothi, njengokuba uYehova ebenemihlali ngani, ukuba anenzele okulungileyo, anandise: enjenjalo uYehova ukuba nemihlali ngani, ukuba anidakise, anitshabalalise; ninyothulwe emhlabeni lowo ungena kuwo, usiya kuwuma;
28:64b.DEU.028.064 aniphangalalise uYehova phakathi kwezizwe zonke, ethabathela esiphelweni sehlabathi, ase esiphelweni sehlabathi; ukhonze thixo bambi khona, ongabazanga wena nooyihlo, imithi namatye.
28:65b.DEU.028.065 Phakathi kwezo ntlanga akusayi kunyhamnyheka, ayisayi kuba nakuphumla intende yonyawo lwakho; uYehova wokunika apho ukugungqa kwentliziyo, nokuphela kwamehlo, nokuthiswa komphefumlo.
28:66b.DEU.028.066 Ubomi bakho bojinga ngomsonto phambi kwakho, unkwantye ubusuku nemini, ungakholwa bubomi bakho;
28:67b.DEU.028.067 kusasa wothi, Akwaba bekungokuhlwa! ngokuhlwa wothi, Akwaba bekukusasa! ngenxa yokunkwantya kwentliziyo yakho oya kunkwantya ngako, nangenxa yokubona aya kukubona amehlo akho.
28:68b.DEU.028.068 UYehova wokubuyisela eYiputa ngeenqanawa, ngendlela endathi kuwe, Uze ungabi saphinda uyibone; kuthengiswe ngani khona ezintshabeni zenu, ukuba nibe ngamakhoboka namakhobokazana, kungabikho bani unithengayo.
29
29:1b.DEU.029.001 Ngawo la amazwi omnqophiso, awamwisela uMoses umthetho ngawo uYehova, ukuba awenze noonyana bakaSirayeli ezweni lakwaMowabhi, ngaphandle komnqophiso awawenzayo nabo eHorebhe.
29:2b.DEU.029.002 UMoses wawabiza amaSirayeli onke, wathi kuwo, Nikubonile konke akwenzileyo uYehova emehlweni enu ezweni laseYiputa, kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke;
29:3b.DEU.029.003 izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, eziyimiqondiso nezimanga ezikhulu.
29:4b.DEU.029.004 Ke akaninikanga uYehova intliziyo yokwazi, namehlo okubona, neendlebe zokuva, unanamhla.
29:5b.DEU.029.005 Ndinihambisile iminyaka engamashumi amane entlango. Iingubo zenu azonakalanga bubudala, zinishiye; neembadada zakho azonakalanga ziphele ezinyaweni zakho;
29:6b.DEU.029.006 anidlanga sonka, aniselanga wayini nasiselo sinxilisayo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
29:7b.DEU.029.007 Nafika kule ndawo, waphuma uSihon ukumkani waseHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, basihlangabeza ngemfazwe, sababulala;
29:8b.DEU.029.008 salithabatha ilizwe labo salinika amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ukuba libe lilifa.
29:9b.DEU.029.009 Wagcineni ke amazwi alo mnqophiso, niwenze, ukuze nikwenze ngengqiqo konke eniya kukwenza.
29:10b.DEU.029.010 Nimi namhla nonke niphela phambi koYehova uThixo wenu; iintloko zenu, nezizwe zenu, namadoda amakhulu akowenu, nababhali benu, onke amadoda akwaSirayeli,
29:11b.DEU.029.011 nabantwana benu, nabafazi benu, nomphambukeli ophakathi komzi wakho, kuthabathela kogawula iinkuni zakho, kuse kokha amanzi akho;
29:12b.DEU.029.012 ukuba ungene emnqophisweni kaYehova uThixo wakho, asesifungweni sakhe, asenzayo uYehova uThixo wakho nawe namhla;
29:13b.DEU.029.013 ukuze animise namhla nibe ngabantu kuye, yena abe nguThixo kuni, njengoko wakuthethayo kuni, njengoko wakufungayo kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi.
29:14b.DEU.029.014 Andiwenzi nani nedwa lo mnqophiso nesi sifungo;
29:15b.DEU.029.015 ndiwenza nomiyo apha nathi namhla phambi koYehova uThixo wethu, kwanongekhoyo apha nathi namhla.
29:16b.DEU.029.016 Ngokuba nina niyakwazi ukuhlala kwethu ezweni laseYiputa, nokucanda kwethu phakathi kweentlanga enacanda kuzo;
29:17b.DEU.029.017 nazibona izinto zazo ezinezothe, nezigodo ezizizithixo zazo, imithi namatye, isilivere negolide, ezinazo:
29:18b.DEU.029.018 hleze kubekho kuni ndoda, namfazi, namzalwane, nasizwe, sintliziyo ijikayo namhla, imke kuYehova uThixo wethu, iye kukhonza oothixo bezo ntlanga; hleze kubekho kuni ingcambu ezele ubuhlungu nomhlonyane;
29:19b.DEU.029.019 kuthi, ekuweveni kwakhe amazwi esi sishwabulo, azisikelele entliziyweni yakhe, esithi, Ndoba noxolo; ngokuba ndihamba ebungqoleni bentliziyo yam, ukuze kuphetshethwe osele wahlutha kwanonxaniweyo.
29:20b.DEU.029.020 UYehova akasayi kuvuma ukumxolela; wosuka uqhume umsindo kaYehova nekhwele lakhe kuloo ndoda, silalephezu kwayo sonke isishwabulo esibhaliweyo kule ncwadi, alicime uYehova igama layo phantsi kwezulu.
29:21b.DEU.029.021 Woyahlulela uYehova okubi ezizweni zonke zamaSirayeli, ngokwezishwabulo zonke zomnqophiso obhaliweyo encwadini yalo myalelo.
29:22b.DEU.029.022 Sothi isizukulwana esisemva kwenu, oonyana benu abaya kuvela emva kwenu nowolunye uhlanga ovela ezweni elikude, bazibone izibetho zelolizwe, nezifo zalo uYehova azihlisileyo kulo:
29:23b.DEU.029.023 isulfure netyuwa, litshile lonke ilizwe lakhona, lingahlwayelwa, lingahlumi nto, lingaphumi tyani; linjengokubhukuqwa kweSodom neGomora, iAdama neTsebhoyim, awazibhukuqayo uYehova ngomsindo wakhe nangobushushu bakhe.
29:24b.DEU.029.024 Zothi ke zonke iintlanga, Kungenxa yantoni na, ukuba uYehova enjenje kweli lizwe? Kuyini na ukuvutha kwalo msindo mkhulu kangaka?
29:25b.DEU.029.025 Kuthiwe, Kungokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wooyise, awawenza nabo ekubakhupheni kwakhe ezweni laseYiputa.
29:26b.DEU.029.026 Baya bakhonza thixo bambi, babanqula, oothixo abangabaziyo, abengababelanga yena.
29:27b.DEU.029.027 Wavutha ke umsindo kaYehova kwelo zwe, ukuba kuziswe phezu kwalo zonke iziqalekiso ezibhaliweyo kule ncwadi;
29:28b.DEU.029.028 uYehova wabanyothula emhlabeni wabo ngomsindo, nangobushushu, nangoburhalarhume obukhulu, wabaphosa zweni limbi, njengoko kunjalo namhla.
29:29b.DEU.029.029 Izinto ezisitheleyo zezikaYehova uThixo wethu; izinto ezityhilekileyo zezethu, nezoonyana bethu kude kuse ephakadeni, ukuze siwenze onke amazwi alo myalelo.
30
30:1b.DEU.030.001 Kothi ke, xa athe eza phezu kwakho onke la mazwi, iintsikelelo neziqalekiso, endizibeke phambi kwakho, wazikhumbula uphakathi kweentlanga zonke, athe wakugxothela kuzo uYehova uThixo wakho,
30:2b.DEU.030.002 wabuyela kuYehova uThixo wakho, waliphulaphula ilizwi lakhe, njengako konke endikuwisela umthetho ngako namhla, wena noonyana bakho, ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke:
30:3b.DEU.030.003 wokubuyisa ke uYehova uThixo wakho ukuthinjwa kwakho, abe nemfesane kuwe, abuye akubuthe ezizweni zonke abekuphangalalisele kuzo uYehova uThixo wakho.
30:4b.DEU.030.004 Ukuba uthe wagxothelwa esiphelweni sezulu, wokubutha nakhona apho uYehova uThixo wakho; wokuphuthuma nakhona apho.
30:5b.DEU.030.005 Wokuzisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe ababelihluthile ooyihlo, ulime, akwenzele okulungileyo, akwandise ngaphezu kooyihlo.
30:6b.DEU.030.006 Woyalusa intliziyo yakho uYehova uThixo wakho, nentliziyo yembewu yakho, ukuba umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, ukuze uphile.
30:7b.DEU.030.007 Wozibeka uYehova uThixo wakho zonke ezi zishwabulo phezu kweentshaba zakho, naphezu kwabakuthiyileyo, abakutshutshisileyo;
30:8b.DEU.030.008 ubuye ke wena, uliphulaphule izwi likaYehova, uyenze yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla.
30:9b.DEU.030.009 UYehova uThixo wakho uya kwandisa kumsebenzi wonke wesandla sakho, kwisiqhamo sesizalo sakho, nakwisiqhamo senkomo yakho, nakwisiqhamo somhlaba wakho, kulunge; ngokuba uYehova uya kubuya abe nemihlali ngawe, kulunge, njengoko waba nemihlali ngooyihlo:
30:10b.DEU.030.010 xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemimiselo yakhe, ebhaliweyo encwadini yalo myalelo; xa uthe wabuyela kuYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke.
30:11b.DEU.030.011 Ngokuba lo mthetho ndikuwiselayo namhla awunto ikunqabeleyo, awukude nokuba kude.
30:12b.DEU.030.012 Awusezulwini, ukuba uthi, Ngubani na oya kusinyukela ezulwini, asithabathele siwuve, siwenze?
30:13b.DEU.030.013 Awuphesheya kolwandle, ukuba uthi, Ngubani na oya kusiwelela ulwandle, asithabathele, siwuve, siwenze?
30:14b.DEU.030.014 Ngokuba ilizwi eli lisondele kunene kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho, ukuba ulenze.
30:15b.DEU.030.015 Khangela, ndibeke phambi kwakho namhla ubomi nokulunga, ukufa nobubi;
30:16b.DEU.030.016 ekubeni ndikuwisela umthetho namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imithetho yakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, uphile, wande, akusikelele uYehova uThixo wakho kwelo zwe ungena kulo ukuba ulime.
30:17b.DEU.030.017 Ke ukuba ithe yajika intliziyo yakho, akweva, wawexulwa, wanqula thixo bambi, wabakhonza:
30:18b.DEU.030.018 ndiyanixelela namhla, ukuba nobhubha kanye. Aniyi kolulelwa mini zenu kuwo umhlaba, eniwela iYordan nisiya kuwuma.
30:19b.DEU.030.019 Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani; ndibeke phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho;
30:20b.DEU.030.020 ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho; ukuze uhlale emhlabeni lowo awafunga uYehova kooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wobanika.
31
31:1b.DEU.031.001 Waya uMoses, wawathetha la mazwi kumaSirayeli onke,
31:2b.DEU.031.002 wathi kuwo, Ndiminyaka ilikhulu elinamanci mabini namhla ndizelwe. Andisenako ukuphuma nokungena; noYehova uthe kum, Akusayi kuyiwela le Yordan.
31:3b.DEU.031.003 NguYehova uThixo wakho owela phambi kwakho; wozitshabalalisa ezo ntlanga phambi kwakho, uzithimbe. NguYoshuwa owela phambi kwakho, njengoko wathethayo uYehova.
31:4b.DEU.031.004 Uya kwenza uYehova kuzo njengoko wenzayo kuSihon nakuOgi, ookumkani bama-Amori, nakwilizwe labo, awabatshabalalisayo;
31:5b.DEU.031.005 azinikele kuni uYehova; nenze kuzo ngokomthetho wonke endiniwiseleyo.
31:6b.DEU.031.006 Yomelelani nikhaliphe: musani ukoyika, musani ukungcangcazela ebusweni bazo. Ngokuba nguYehova uThixo wakho ohamba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya.
31:7b.DEU.031.007 UMoses wambiza ke uYoshuwa, wathi kuye emehlweni amaSirayeli onke, Yomelela ukhaliphe; kuba wena uya kungena naba bantu kwelo zwe wafungayo kooyise uYehova ukuba wobanika; wena uya kubadlisa ilifa.
31:8b.DEU.031.008 NguYehova ohamba phambi kwakho; yena uya kuba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya. Uze ungoyiki, ungaqhiphuki mbilini.
31:9b.DEU.031.009 Wawubhala uMoses lo myalelo, wawunika ababingeleli, oonyana bakaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, namadoda amakhulu akwaSirayeli onke.
31:10b.DEU.031.010 UMoses wabawisela umthetho, esithi, Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ngexesha elimisiweyo lomnyaka woyekelelo, emthendelekweni weminquba,
31:11b.DEU.031.011 ekuzeni kubonakala kwamaSirayeli onke phambi koYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula, wowulesa lo myalelo phambi kwamaSirayeli onke ezindlebeni zawo.
31:12b.DEU.031.012 Bobizelwa ndawonye abantu, amadoda, nabafazi, nabantwana, nomphambukeli wakho osemasangweni akho, ukuze beve, nokuze bafunde, bamoyike uYehova uThixo wenu, bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo;
31:13b.DEU.031.013 beve noonyana babo abangaziyo, bafunde ukumoyika uYehova uThixo wenu, yonke imihla enidla ubomi ngayo, kuloo mhlaba eniwela iYordan nisiya kuwuma.
31:14b.DEU.031.014 Wathi uYehova kuMoses, Yabona, isondele imihla yakho yokuba ufe. Biza uYoshuwa, niye nime ententeni yokuhlangana, ndimyale. Baya ooMoses noYoshuwa, bema ententeni yokuhlangana.
31:15b.DEU.031.015 Wabonakala uYehova ententeni emqulwini welifu. Wamana umi umqulu welifu phezu komnyango wentente.
31:16b.DEU.031.016 Wathi uYehova kuMoses, Yabona, uya kulala nooyihlo; basuke aba bantu bahenyuze ngokulandela thixo bambi belo zwe bangena kulo phakathi kwalo, bandishiye, bawaphule umnqophiso wam endiwenze nabo;
31:17b.DEU.031.017 uvuthe umsindo wam kubo ngaloo mini, ndibashiye, ndibusithelise ubuso bam kubo, babe ngabokudliwa kuthi tu, bafunyanwe bububi obuninzi naziimbandezelo; bathi ngaloo mini, Akungenxa yokuba engekho na uThixo wam phakathi kwam, le nto ndifunyenwe bobu bubi?
31:18b.DEU.031.018 Ke mna ndiya kubusithelisa kuphele ubuso bam ngaloo mini, ngenxa yobubi bonke ababenzileyo; ngokuba bejike baya thixweni bambi.
31:19b.DEU.031.019 Kaloku ke zibhaleleni le ngoma, niyifundise oonyana bakaSirayeli, niyibeke emlonyeni wabo, ukuze le ngoma ibe lingqina lam koonyana bakaSirayeli.
31:20b.DEU.031.020 Kuba ndiya kubangenisa kuwo umhlaba endafunga kooyise ngawo, obaleka amasi nobusi, badle bahluthe, batyebe; bajike baye thixweni bambi, babakhonze, bandigibe, bawaphule umnqophiso wam.
31:21b.DEU.031.021 Kothi, xa bathe bafunyanwa bububi obuninzi naziimbandezelo, isuke le ngoma iphendule phambi kwabo, ibe lingqina: kuba ayisayi kulityalwa imke emlonyeni wembewu yabo; kuba ndiyakwazi ukucamanga kwabo abakwenzayo namhla, ndingekabangenisi njekwelo zwe ndifunge ngalo.
31:22b.DEU.031.022 Wayibhala uMoses loo ngoma ngaloo mini, wayifundisa oonyana bakaSirayeli.
31:23b.DEU.031.023 Wammisela uYoshuwa unyana kaNun umthetho; wathi, Yomelela, ukhaliphe, kuba uya kubangenisa wena oonyana bakaSirayeli kwelo zwe ndabafungela lona. Ndiya kuba nawe mna.
31:24b.DEU.031.024 Kwathi, akugqiba uMoses ukuwabhala amazwi alo myalelo encwadini ada agqitywa,
31:25b.DEU.031.025 uMoses wabawisela umthetho abaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, esithi,
31:26b.DEU.031.026 Yithabatheni incwadi yalo myalelo, niyibeke ecaleni letyeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, ibe lingqina khona kuni.
31:27b.DEU.031.027 Ngokuba ndiyazazi iinkani zakho, nentamo yakho elukhuni. Yabonani, ndisadla ubomi nje, ndisenani, namana niphikisana noYehova; kobeka phi na emva kokufa kwam?
31:28b.DEU.031.028 Bizelani ndawonye onke amadoda amakhulu ezizwe zenu, nababhali benu, beze kum, ndiwathethe la mazwi ezindlebeni zabo, ndingqinisise amazulu nehlabathi ngabo.
31:29b.DEU.031.029 Kuba ndiyazi ukuba, emva kokufa kwam, niya kuzonakalisa kanye, nityeke endleleni endiniwisele umthetho ngayo, nihlelwe bububi ekupheleni kwemihla; ngokuba niya kwenza ububi phambi koYehova, ukuba nimqumbise ngomsebenzi wezandla zenu.
31:30b.DEU.031.030 Wawathetha ke uMoses ezindlebeni zebandla lonke lakwaSirayeli amazwi ale ngoma, ada agqitywa:
32
32:1b.DEU.032.001 Bekani indlebe, mazulu, ndithethe; Live ihlabathi amazwi omlomo wam;
32:2b.DEU.032.002 Ichaphaze njengemvula imfundiso yam, Ihle njengombethe intetho yam, Njengomkhumezelo phezu kohlaza, Njengamathontsi phezu kotyani.
32:3b.DEU.032.003 Ngokuba ndiya kuvakalisa igama likaYehova: Mnikeni ubukhulu uThixo wethu!
32:4b.DEU.032.004 NguLiwa; ugqibele umsebenzi wakhe, Ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni; NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; Lilungisa, uthe tye yena.
32:5b.DEU.032.005 Isizukulwana esijibilizayo, esibhijeleneyo, Sizonakalisile kuyesingenyana bakhe, sisiphako sabo.
32:6b.DEU.032.006 Nenjenje na ukumphatha uYehova? Bantundini banobudenge, bangenabulumko, Akanguye na uyihlo okudalileyo, Okwenzileyo, okusekileyo?
32:7b.DEU.032.007 Khumbula iimini zasephakadeni, Qonda iminyaka yezizukulwana ngezizukulwana. Buza kooyihlo, bakubalisele, Kumadoda amakhulu akowenu, akuxelele.
32:8b.DEU.032.008 Ekuzabeleni kOsenyangweni iintlanga ilifa, Ekubahlulahluleni kwakhe oonyana baka-Adam, Wayimisa imida yezizwe Ngokwenani loonyana bakaSirayeli.
32:9b.DEU.032.009 Kuba isabelo sikaYehova ngabantu bakhe, UYakobi licandelo lelifa lakhe.
32:10b.DEU.032.010 Wamfumana ezweni eliyintlango, Enyanyeni, enkangala ebhombolozayo; Wamwola, wamondla, Wamlondoloza njengokhozo lweliso lakhe.
32:11b.DEU.032.011 Njengokhozi lususela, Lundanda phezu kwamathole alo, Wawolula amaphiko akhe, wamthabatha, Wamthwala ngamaphiko akhe.
32:12b.DEU.032.012 Wamkhokela uYehova yedwa, Engenathixo wolunye uhlanga naye.
32:13b.DEU.032.013 Wamkhwelisa emimangweni yehlabathi; Wadla ke iziveliso zamasimi; Wammunyisa ubusi engxondorheni, Neoli eweni leqhwitha;
32:14b.DEU.032.014 Amasi eenkomo, nobisi lwempahla emfutshane, Kunye namanqatha eemvana; Neenkunzi zezimvu, amatakane aseBhashan, neebhokhwe, Kunye namanqatha ezintso zengqolowa; Negazi lediliya walisela, liyiwayini enegwebu.
32:15b.DEU.032.015 Watyeba ke uYeshurun, wakhaba; Watyeba wena, wanesibili, wathi fithi; Wamlahla uThixo owamenzayo, Walenza isidenge iLiwa lokusindiswa kwakhe.
32:16b.DEU.032.016 Bamkhweletisa ngoothixo basemzini, Bamqumbisa ngamasikizi.
32:17b.DEU.032.017 Babingelela kwiidemon ezingeThixo, Koothixo abangabaziyo, Kwabatsha abasandula ukufika, Ababengabahlonele ooyihlo.
32:18b.DEU.032.018 ILiwa elakuzalayo walihilizela, Wamlibala uThixo owaba nenimba ngawe.
32:19b.DEU.032.019 Wabona uYehova, wabalahla, Ngokuqunjiswa ngoonyana bakhe neentombi zakhe.
32:20b.DEU.032.020 Wathi, Ndiya kubusithelisa ubuso bam kubo, Ndibone ukuba koba yintoni na ukuphela kwabo; Ngokuba basisizukulwana sempenduka, Ngoonyana abangenantembeko.
32:21b.DEU.032.021 Bona bandikhweletisa ngongeThixo, Bandiqumbisa ngamampunge abo. Nam ndiya kubakhweletisa ngabangebantu, Ndibaqumbise ngohlanga olunobudenge.
32:22b.DEU.032.022 Ngokuba kuphenjwe umlilo emathatheni am; Utsha ude use kwelingaphantsi labafileyo, Ulidle ihlabathi neendyebo zalo, Uvuthise iziseko zeentaba.
32:23b.DEU.032.023 Ndiya kufumba ububi phezu kwabo, lintolo zam ndiziphelelisele kubo;
32:24b.DEU.032.024 Omakhanywa kukulamba, omadliwa kukurhala, Nembubhiso ekrakra. Ndiya kubathumela izinyo lamarhamncwa, Nobuhlungu bezinambuzane zothuli.
32:25b.DEU.032.025 Ngaphandle kophanga ikrele, Ezingontsini kuphange izothuso, Kufane indodana nentombi, Kufane owanyayo nengwevu.
32:26b.DEU.032.026 Ngendiba ndithi, Ndiya kubaphephetha, Ndisiphelise isikhumbuzo sabo ebantwini;
32:27b.DEU.032.027 Koko ndinxungupheleyo kukuqunjiswa lutshaba, Hleze ababandezeli babo bangaqondi; Hleze bathi, Kuphakame isandla sethu; Akwenziwe nguYehova oku konke.
32:28b.DEU.032.028 Ngokuba luhlanga oluphelelwe ngamacebo, Tu ingqondo kubo.
32:29b.DEU.032.029 Akwaba babelumkile; ngebekuqiqa oku, Basiqonde isiphelo sabo.
32:30b.DEU.032.030 Yo! Ebengayi kuthi na emnye kubo asukele iwaka, Bebabini bagxothe amawaka alishumi, Ukuba belingathengisanga ngabo iLiwa labo, Wabanikela uYehova?
32:31b.DEU.032.031 Kuba alinjengeLiwa lethu iliwa lazo, lintshaba zethu zingabagwebi boko.
32:32b.DEU.032.032 Kuba umdiliya wabo ngowomdiliya waseSodom, Ngowamasimi aseGomora. Iidiliya zabo ziidiliya ezinobuhlungu, Izihloko zazo zinobukrakra.
32:33b.DEU.032.033 Bubuhlungu benyushu iwayini yabo, Yinyongo enobujorha yamaphimpi.
32:34b.DEU.032.034 Oku akubekwe kum na, Kwavingcelwa koovimba bam?
32:35b.DEU.032.035 Yeyam impindezelo nembuyekezo Ngexesha lokutyibilika konyawo lwabo; Ngokuba usondele umhla wokusindeka kwabo, Kuyakhawuleza abakumiselweyo.
32:36b.DEU.032.036 Ngokuba uya kugweba phakathi kwabantu bakhe uYehova, Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe, Xa abonayo ukuba ethile amandla, Uphelile ovalelweyo novulelweyo.
32:37b.DEU.032.037 Wothi ke, Baphi na kaloku oothixo babo, Iliwa ababezimela ngalo:
32:38b.DEU.032.038 Ababesidla amanqatha emibingelelo yabo, Ababesela iwayini yeminikelo yabo ethululwayo? Mabasuke banincede, Kubekho isithe phezu kwenu.
32:39b.DEU.032.039 Bonani ngoku, ukuba mna ndinguye; Tu thixo unam. Ndiyabulala, ndidlise ubomi; Ndiyaphalusa, ndiphilise mna; Tu uhlangulayo esandleni sam.
32:40b.DEU.032.040 Ngokuba ndisiphakamisela emazulwini isandla sam; Ndithi, Ndihleli nje mna ngonaphakade,
32:41b.DEU.032.041 Ukuba ndithe ndalilola ikrele lam elingumbane, Sabambelela elugwebeni isandla sam, Ndoyibuyisela impindezelo kubabandezeli bam, Ndibuyekeze kubathiyi bam.
32:42b.DEU.032.042 Ndozinxilisa iintolo zam ngegazi, Ikrele lam liyidle inyama Ngegazi labahlatyiweyo nabathinjiweyo, Ngentloko enesihlwitha yotshaba.
32:43b.DEU.032.043 Memelelani, zintlanga, ngenxa yaba ntu bakhe, Ngokuba eliphindezelela igazi laba khonzi bakhe, Abuyisele impindezelo kubabande zeli bakhe, Awucamagushele ke umhlaba wakhe nabantu bakhe.
32:44b.DEU.032.044 Weza ke uMoses, wawathetha onke amazwi ale ngoma ezindlebeni zabantu, yena noYoshuwa unyana kaNun.
32:45b.DEU.032.045 Wagqiba uMoses ukuwathetha onke la mazwi kumaSirayeli onke,
32:46b.DEU.032.046 wathi kuwo, Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endiwangqinayo kuni namhla, eniya kuwamisela koonyana benu, ukuba bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo.
32:47b.DEU.032.047 Ngokuba asilizwi lilambathayo kuni eli, kuba bubomi benu; ngeli lizwi niya kuyolula imihla kuloo mhlaba niyiwelayo iYordan nisiya kuwuhlutha.
32:48b.DEU.032.048 Wathetha uYehova kuMoses kwangaloo mini, esithi,
32:49b.DEU.032.049 Nyuka uye kule ntaba yaseAbharim, entabeni yeNebho, esezweni lakwaMowabhi, elikhangelene neYeriko, ukhangele ilizwe lakwaKanan, endilinika oonyana bakaSirayeli ukuba libe lelabo;
32:50b.DEU.032.050 ufele entabeni oyinyukayo, uhlanganiselwe kubantu bakowenu, njengokuba wafayo umkhuluwa wakho uAron entabeni yeHore, wahlanganiselwa kubantu bakowabo;
32:51b.DEU.032.051 ngenxa yokuba namenezayo kum phakathi koonyana bakaSirayeli emanzini aseMeribha yaseKadeshe, entlango yeTsin, ngenxa yokuba ningandingcwalisanga phakathi koonyana bakaSirayeli.
32:52b.DEU.032.052 Ngokuba wolibona ilizwe liphambili, kodwa ungangeni kulo ilizwe endilinika oonyana bakaSirayeli.
33
33:1b.DEU.033.001 Yiyo le intsikelelo, awabasikelela ngayo uMoses, indoda yakwaThixo, oonyana bakaSirayeli, phambi kokufa kwakhe, wathi:
33:2b.DEU.033.002 UYehova wavela eSinayi, Waphuma kwaSehire phezu kwabo; Wabengezela esezintabeni zeParan, Weza ephuma kwiingcwele ezimawaka alishumi, Ekunene kwakhe ikukubinza komlilo kubo.
33:3b.DEU.033.003 Inene, uyazithanda izizwe. Bonke abangcwele bakhe basesandleni sakho, Bahlala ezinyaweni zakho, Besuke ngamazwi akho.
33:4b.DEU.033.004 UMoses wasiwisela umyalelo, Ilifa ke elo lebandla lakwaYakobi.
33:5b.DEU.033.005 Waba ngukumkani kwaYeshurun, Ekuzihlanganiseni iintloko zabantu, Izizwe zakwaSirayeli zindawonye.
33:6b.DEU.033.006 URubhen makadle ubomi, angafi; Angabi mbalwa amadoda akhe.
33:7b.DEU.033.007 Le yintsikelelo kaYuda, wathi, Yiva, Yehova, izwi likaYuda, Umngenise kubantu bakowabo; Uyabalwela ngezandla zakhe; Umnceda wena kubabandezeli bakhe.
33:8b.DEU.033.008 Wathi ngoLevi, IiTumim zakho neeUrim zakho zezomntu wakho wenceba, Owamlingayo eMasa, Wabambana naye emanzini aseMeribha.
33:9b.DEU.033.009 Lowo uthi kuyise nakunina, Andikuboni; Akatheni nabazalwana bakhe, Akabazi noonyana bakhe; Ngokuba egcine intetho yakho, Wabamba umnqophiso wakho.
33:10b.DEU.033.010 Baya kumyala uYakobi ngamasiko akho, Bamyale uSirayeli ngomyalelo wakho, Babeke isiqhumiso ezimpumlweni zakho, Namadini apheleleyo esibingelelweni sakho.
33:11b.DEU.033.011 Sikelela, Yehova, amandla akhe, Ukholeke kuwe umsebenzi wezandla zakhe. Baphaluswe emanqeni abavukelana naye, Nabamthiyileyo bangabi nakuvuka.
33:12b.DEU.033.012 NgoBhenjamin wathi, Intanda kaYehova iya kuhlala kuye ikholosile; Uyikhusele imini yonke, Ihlala phakathi kwamagxa akhe.
33:13b.DEU.033.013 NgoYosefu wathi. Malisikelelwe nguYehova ilizwe lakhe Ngezinto ezinconywayo zezulu; Ngombethe nangamanzi enzonzobila elele ezantsi.
33:14b.DEU.033.014 Nangezinconywayo eziveliswa lilanga, Nangezinconywayo ezihlunyiswa ziinyanga,
33:15b.DEU.033.015 Nangeencopho zeentaba zamandulo, Nangezinconywayo zeenduli ezingunaphakade,
33:16b.DEU.033.016 Nangezinconywayo zomhlaba nenzaliseko yawo. Nekholo lowahlala etyholweni Malifike entlokweni kaYosefu, Naselukakayini lwalowo ubalulekileyo kubazalwana bakhe.
33:17b.DEU.033.017 Eyamazibulo inkunzi yakhe, hayi, ubungangamsha bayo! Ziimpondo zenqu iimpondo zayo; Ngazo ihlaba izizwe, ngaxa-nye iziphelo zehlabathi. Ngamawaka alishumi akwaEfrayim ke lawo. Ngamawaka akwaManase ke lawo.
33:18b.DEU.033.018 NgoZebhulon wathi, Vuya, Zebhulon, ngokuphuma kwakho; Vuya, Isakare, ngeentente zakho.
33:19b.DEU.033.019 Baya kumema izizwe, zize entabeni, Babingelele khona imibingelelo yobulungisa; Ngokuba besanya ubutyebi beelwandle Nezinto eziselelwe entlabathini.
33:20b.DEU.033.020 NgoGadi wathi, Makabongwe owandisa uGadi. Ubuthuma njengengonyamakazi, Adlavule umkhono, ewe, nokakayi.
33:21b.DEU.033.021 Wazibonela isahlulo esiyingqalo; Ngokuba besibekwe khona isabelo sommisi-mthetho. Weza kwiintloko zabantu, Wenza ubulungisa bukaYehova, Namasiko akhe ndawonye namaSirayeli.
33:22b.DEU.033.022 Wathi ngoDan, UDan lithole lengonyama; Usuka umtsi eBhashan.
33:23b.DEU.033.023 NgoNafetali wathi, Nafetali, ukholisiweyo kanye, Uzeleyo yintsikelelo kaYehova, Woluhlutha ulwandle nomzantsi.
33:24b.DEU.033.024 NgoAshere wathi, Usikelelwe ngaphezu koonyana uAshere; Makabe likholo phakathi kwabazalwana bakhe, Athi nkxu unyawo lwakhe eolini.
33:25b.DEU.033.025 Imivalo yakho yoba sisinyithi nobhedu, Kube ngangeemini zakho ukonwaba kwakho.
33:26b.DEU.033.026 Akukho unjengoThixo, Yeshurun, Ulokhwela emazulwini eluncedo lwakho, Ulokhwela esibhakabhakeni enobungangamsha bakhe.
33:27b.DEU.033.027 Likhaya uThixo wamandulo, Ngaphantsi ziingalo ezingunaphakade. Ugxotha utshaba ebusweni bakho; Uthi, Tshabalalisa!
33:28b.DEU.033.028 USirayeli uhlala ekholosile, Uwodwa umthombo kaYakobi, Usinga ezweni lengqolowa newayini entsha; Inene izulu lalo liqhoqhoza umbethe.
33:29b.DEU.033.029 Unoyolo, Sirayeli! Ngubani na onjengawe, bantu basindiswe nguYehova, Ikhaka loncedo lwakho, Ikrele lobungangamsha bakho. Ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho, Unyathele ke wena emimangweni yazo.
34
34:1b.DEU.034.001 Wenyuka ke uMoses, esuka ezi nkqantosini zakwaMowabhi, waya entabeni yeNebho, encotsheni yePisga, ekhangelene neYeriko. UYehova wambonisa lonke ilizwe laseGiliyadi, wasa kwaDan.
34:2b.DEU.034.002 nelakwaNafetali lonke, nelizwe lakwaEfrayim noManase, nelizwe lonke lakwaYuda, wasa elwandle lwasentshonalanga;
34:3b.DEU.034.003 nelasezantsi, nommandla wesihlambo seYeriko, umzi wamasundu, wasa eTsohare.
34:4b.DEU.034.004 Wathi uYehova kuye, Lilo eli ilizwe endafunga ngalo kooAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho; ndikukhangelisile ngamehlo, ke akuyi kuwela uye kulo.
34:5b.DEU.034.005 Wafela khona uMoses, umkhonzi kaYehova, ezweni lakwaMowabhi, ngokomlomo kaYehova.
34:6b.DEU.034.006 Wamngcwabela emfuleni, ezweni lakwaMowabhi, malungana neBhete-pehore. Akukho bani ulaziyo ingcwaba lakhe unanamhla.
34:7b.DEU.034.007 UMoses ebeminyaka ilikhulu elinamanci mabini ezelwe, mini wafa; lingenalurhatyazo iliso lakhe, esomelele nokomelela.
34:8b.DEU.034.008 Oonyana bakaSirayeli bamlilela uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi imilula emashumi mathathu; yaphela ke imihla yokumlilela nokumenzela isijwili uMoses.
34:9b.DEU.034.009 Waza uYoshuwa, unyana kaNun, wazala ngumoya wobulumko; ngokuba uMoses wayecinezele ngezandla zakhe uMoses wamwisela umthetho ngako.
34:10b.DEU.034.010 Akubanga savela kwaSirayeli mprofeti unjengoMoses, awathi uYehova wamazi, bakhangelana ebusweni;
34:11b.DEU.034.011 ngemiqondiso yonke, nezimanga, awamthumayo uYehova ukuba azenze ezweni laseYiputa kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke;
34:12b.DEU.034.012 nangaso sonke isandla esithe nkqi, nangokoyikeka konke okukhulu, awakwenzayo uMoses emehlweni amaSirayeli onke.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Deuteronomy (Xhosa). Deuteronomy (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C382-8