Exodus (Xhosa)
1
1:1b.EXO.001.001 Ngawo la ke amagama oonyana bakaSirayeli, ababefike eYiputa noYakobi; beza elowo nendlu yakhe:
1:2b.EXO.001.002 uRubhen, uSimon, uLevi noYuda;
1:3b.EXO.001.003 uIsakare, uZebhulon noBhenjamin;
1:4b.EXO.001.004 uDan noNafetali, uGadi noAshere.
1:5b.EXO.001.005 Iyonke imiphefumlo eyaphumayo esinqeni sikaYakobi yayiyimiphefumlo emashumi asixhenxe; uYosefu yena ubeseleseYiputa.
1:6b.EXO.001.006 Wafa ke uYosefu nabazalwana bakhe bonke, neso sizukulwana sonke.
1:7b.EXO.001.007 Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo.
1:8b.EXO.001.008 Kwavela ukumkani omtsha phezu kweYiputa, owayengamazi uYosefu.
1:9b.EXO.001.009 Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu oonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi.
1:10b.EXO.001.010 Yizani sibalumkise, hleze bande; bathi, xenikweni kuthe kwehla imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni.
1:11b.EXO.001.011 Bamisa ke phezu kwabo abathetheli bokubafaka uviko, ukuze babacinezele ngemithwalo yabo. Bamakhela ke uFaro imizi enoovimba, iPitom neRameses.
1:12b.EXO.001.012 Okukhona babacinezelayo, kokukhona bandayo, kokukhona baphangalalayo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli.
1:13b.EXO.001.013 AmaYiputa ke abakhonzisa oonyana bakaSirayeli ngokutyumzayo;
1:14b.EXO.001.014 abenza bakrakra ubomi babo ngomsebenzi olukhuni, ngodaka nangezitena, nangeentlobo zonke zomsebenzi wasendle; yonke imisebenzi abasetyenziswa yona yayiyetyumzayo.
1:15b.EXO.001.015 Ke kaloku ukumkani waseYiputa wathetha kubazalisikazi abangamaHebherekazi, igama lomnye linguShifra, igama lomnye linguPuwa;
1:16b.EXO.001.016 wathi, Ekuzaliseni kwenu amaHebherekazi, khangelani xa azalayo: ukuba ithe yayinkwenkwe, noyibulala; ukuba ithe yayintombi, yodla ubomi.
1:17b.EXO.001.017 Abazalisikazi boyika uThixo, abenza ngoko wathetha ngako kubo ukumkani waseYiputa, bawasindisa amakhwenkwe.
1:18b.EXO.001.018 Wababiza ukumkani waseYiputa abazalisikazi, wathi kubo, Kungani na ukuba nenze le nto yokuwasindisa amakhwenkwe?
1:19b.EXO.001.019 Bathi abazalisikazi kuFaro, AmaHebherekazi akanjengabafazi bamaYiputa, kuba omelele; azala engekangeni kuwo umzalisikazi.
1:20b.EXO.001.020 Ngoko uThixo wabenzela okulungileyo abazalisikazi. Banda abantu, banamandla kakhulu.
1:21b.EXO.001.021 Kwathi, kuba abazalisikazi babemoyika uThixo, wazisikelela izindlu zabo.
1:22b.EXO.001.022 UFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombi zisindiseni.
2
2:1b.EXO.002.001 Kwaphuma umfo wendlu kaLevi, wazeka intombi yakwaLevi.
2:2b.EXO.002.002 Wamitha umfazi lowo, wazala unyana; wambona ukuba mhle, wamfihla iinyanga ezintathu.
2:3b.EXO.002.003 Wathi, akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene netywina, wamfaka kuwo umntwana, wawubeka engcotyeni, elunxwemeni lomlambo.
2:4b.EXO.002.004 Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenzeka kuye.
2:5b.EXO.002.005 Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha.
2:6b.EXO.002.006 Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo.
2:7b.EXO.002.007 Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndiye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana?
2:8b.EXO.002.008 Yathi intombi kaFaro kuye, Yiya. Yaya ke intombi leyo, yabiza unina womntwana.
2:9b.EXO.002.009 Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise; ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi lowo wamthabatha umntwana, wamanyisa.
2:10b.EXO.002.010 Wakhula umntwana, wamsa ke kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo. Yamthiya igama elinguMoses, yathi, Ndamrhola emanzini.
2:11b.EXO.002.011 Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe.
2:12b.EXO.002.012 Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini.
2:13b.EXO.002.013 Waphuma ngemini yesibini; wabona amaHebhere emabini entlalana; wathi kowone omnye, Yini na ukuba umbethe ummelwane wakho?
2:14b.EXO.002.014 Wathi yena, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Mayibe le nto iyaziwa.
2:15b.EXO.002.015 UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni.
2:16b.EXO.002.016 Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise.
2:17b.EXO.002.017 Bafika abalusi, bazigxotha. Wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane.
2:18b.EXO.002.018 Zakufika kuRehuweli uyise, wathi, Nitheni na namhlanje ukuhle nifike?
2:19b.EXO.002.019 Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane.
2:20b.EXO.002.020 Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka.
2:21b.EXO.002.021 Wakholwa uMoses kukuhlala naloo ndoda. Yamnika uMoses uTsipora, intombi yayo.
2:22b.EXO.002.022 Yazala unyana, wamthiya igama elinguGershom, kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga.
2:23b.EXO.002.023 Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala; kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi.
2:24b.EXO.002.024 Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi.
2:25b.EXO.002.025 UThixo wababona oonyana bakaSirayeli, wabazi uThixo.
3
3:1b.EXO.003.001 Ke kaloku uMoses wayesalusa impahla emfutshane kaYitro, uyise womkakhe, umbingeleli wakwaMidiyan, wayiqhubela ele kwentlango, wafika entabeni kaThixo eHorebhe.
3:2b.EXO.003.002 Kwabonakala isithunywa sikaYehova kuye, siselangatyeni lomlilo, etyholweni phakathi, wakhangela, wabona ityholo lisitsha ngumlilo, noko lingade litshe liphele.
3:3b.EXO.003.003 Wathi uMoses, Makhe ndityeke, ndiye kubona lo mbono mkhulu; ukuba kutheni na ukuba ityholo lingatshi liphele.
3:4b.EXO.003.004 Wabona uYehova, ukuba utyekile esiza kubona; uThixo wabiza esetyholweni phakathi, wathi kuye, Moses, Moses. Wathi yena, Ndilapha.
3:5b.EXO.003.005 Wathi, Musa ukusondela apha. Khulula iimbadada zakho ezo ezinyaweni zakho, kuba loo ndawo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.
3:6b.EXO.003.006 Wathi, NdinguThixo kayihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wabusithelisa uMoses ubuso bakhe, kuba ebesoyika ukukhangela kuThixo.
3:7b.EXO.003.007 Wathi uYehova, Ndizibonile okunene iintsizi zabantu bam abaseYiputa, nokukhala kwabo ndikuvile, ngenxa yabo babaqhuba kalukhuni; kuba ndiyawazi umvandedwa wabo.
3:8b.EXO.003.008 Ndihlile ke; ndize kubahlangula esandleni samaYiputa, ndibanyuse baphume kwelo lizwe, baye ezweni elilungileyo, elibanzi, ezweni elibaleka amasi nobusi, endaweni yamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.
3:9b.EXO.003.009 Ngoku ke naku ukukhala koonyana bakaSirayeli, kufikile kum; kananjalo ndikubonile ukuxina abaxine ngako amaYiputa.
3:10b.EXO.003.010 Hamba ngoku, ndikuthume kuFaro, ubakhuphe eYiputa abantu bam, oonyana bakaSirayeli.
3:11b.EXO.003.011 Wathi uMoses kuThixo, Ndingubani na ukuba ndingade ndiye kuFaro, ukuba ndibakhuphe eYiputa oonyana bakaSirayeli?
3:12b.EXO.003.012 Wathi, Ndiya kuba nawe. Nangu umqondiso wokuba ndikuthumile mna: ekubakhupheni kwakho abantu eYiputa, niya kumkhonza uThixo kule ntaba.
3:13b.EXO.003.013 Wathi uMoses kuThixo, Uyabona, ukuba ndiya koonyana bakaSirayeli, ndithi kubo, UThixo wooyihlo undithumile kuni, baze bathi kum, Ngubani na igama lakhe? ndothini na kubo?
3:14b.EXO.003.014 Wathi uThixo kuMoses, Ndinguye eNdinguye. Wathi, Wotsho koonyana bakaSirayeli ukuthi, uNdinguye undithumile kuni.
3:15b.EXO.003.015 Waphinda wathi uThixo kuMoses, Wothi koonyana bakaSirayeli, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, undithumile kuni: ligama lam elo ngonaphakade, sisikhumbuzo sam eso kwizizukulwana ngezizukulwana.
3:16b.EXO.003.016 Yiya uhlanganise amadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, kaIsake kaYakobi, ubonakele kum, wathi, Ndinivelele nina, naloo nto niyenziweyo eYiputa.
3:17b.EXO.003.017 Ndathi, Ndiya kuninyusa niphume ezintsizini zaseYiputa, niye ezweni lamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ezweni elibaleka amasi nobusi.
3:18b.EXO.003.018 Boliphulaphula ilizwi lakho; uze uye ke wena namadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani waseYiputa, nithi kuye, UYehova uThixo wamaHebhere uhlangene nathi; ngoku makhe sihambe entlango uhambo lweentsuku ezintathu, sibingelele kuYehova uThixo wethu.
3:19b.EXO.003.019 Ke mna ndiyazi, ukuba ukumkani waseYiputa akayi kunivumela ukuba nihambe, nokuba sekungesandla esithe nkqi.
3:20b.EXO.003.020 Ndiya kusolula isandla sam, ndiyibethe iYiputa ngemisebenzi yam yonke ebalulekileyo, endiya kuyenza phakathi kwayo, andule ke ukunindulula.
3:21b.EXO.003.021 Aba bantu ndiya kubababala phambi kwamaYiputa; kuthi, xa nithe nemka, ningemki nize.
3:22b.EXO.003.022 Intokazi iya kucela kwengummelwane wayo, nakwengumphambukeli endlwini yayo, impahla yesilivere, nempahla yegolide, neengubo, nizinxibe oonyana benu neentombi zenu, niwaphange amaYiputa.
4
4:1b.EXO.004.001 Waphendula uMoses wathi, Uyabona, abayi kukholwa ndim, abayi kuliphulaphula izwi lam; kuba baya kuthi, UYehova akabonakalanga kuwe.
4:2b.EXO.004.002 Wathi uYehova kuye, Yintoni na loo nto isesandleni sakho? Wathi, Yintonga.
4:3b.EXO.004.003 Wathi, Yiphose emhlabeni. Wayiphosa emhlabeni, yasuka yaba yinyoka; wayibaleka uMoses.
4:4b.EXO.004.004 Wathi uYehova kuMoses, Solule isandla sakho, uyibambe ngomsila; (wasolula isandla sakhe, wayibamba, yasuka yaba yintonga esandleni sakhe);
4:5b.EXO.004.005 ukuze bakholwe ukuba uYehova, uThixo wooyise, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, ubonakele kuwe.
4:6b.EXO.004.006 Waphinda uYehova wathi kuye, Khawusifake isandla sakho esifubeni sakho. Wasifaka isandla sakhe esifubeni sakhe. Akusirhola isandla sakhe, naso sineqhenqa, simhlophe njengekhephu.
4:7b.EXO.004.007 Wathi, Sibuyisele isandla sakho esifubeni sakho. Wasibuyisela isandla sakhe esifubeni; wasirhola esifubeni sakhe, naso sibuye saba njengenyama yakhe.
4:8b.EXO.004.008 Kothi, ukuba abathanga bakholwe nguwe, abaliphulaphula izwi lowokuqala umqondiso, bakholwe lilizwi lomqondiso wamva.
4:9b.EXO.004.009 Kothi, ukuba abathanga bakholwe nayile miqondiso mibini, abaliphulaphula nezwi lakho, uthabathe amanzi omlambo, uwaphalazele emhlabeni owomileyo; osuka amanzi owathabathileyo emlanjeni abe ligazi emhlabeni owomileyo.
4:10b.EXO.004.010 Wathi uMoses kuYehova, Camagu, Nkosi yam! Andindoda imazwi maninzi nanini na, oko wathethayo kumkhonzi wakho lo; kuba ndingokuthetha kunzima, ndikwanzima nolwimi.
4:11b.EXO.004.011 Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeke umlomo emntwini? Ngubani na owenze isidenge, nesithulu, nobonayo, nemfama? Asindim na, mna Yehova?
4:12b.EXO.004.012 Ngoko ke hamba, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha.
4:13b.EXO.004.013 Wathi yena, Camagu, Nkosi yam! Khawuthume ngesandla salowo womthuma.
4:14b.EXO.004.014 Wavutha umsindo kaYehova kuMoses, wathi, Akanguye na umkhuluwa wakho uAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha. Kananjalo nanko yena ephuma eza kukukhawulela; wokubona, avuye entliziyweni yakhe.
4:15b.EXO.004.015 Wothetha kuye, ubeke amazwi emlonyeni wakhe; mna ndoba nomlomo wakho nomlomo wakhe, ndinibonise into eniya kuyenza.
4:16b.EXO.004.016 Yena wokuthethela ebantwini, athi yena abe ngumlomo kuwe, uthi wena ube nguthixo kuye.
4:17b.EXO.004.017 Ke le ntonga yiphathe ngesandla sakho; uya kwenza ngayo imiqondiso leyo.
4:18b.EXO.004.018 Wahamba ke uMoses, wabuyela kuYitro, uyise womkakhe, wathi kuye, Makhe ndihambe, ndibuyele kubazalwana bam abaseYiputa, ndibone ukuba basahleli na. Wathi uYitro kuMoses, Hamba ngoxolo.
4:19b.EXO.004.019 UYehova wathi kuMoses kwaMidiyan, Hamba ubuyele eYiputa; kuba afile onke amadoda abezonda ubomi bakho.
4:20b.EXO.004.020 UMoses wathabatha umkakhe noonyana bakhe, wabakhwelisa e-esileni, wabuyela ezweni laseYiputa; wayiphatha uMoses intonga kaThixo ngesandla sakhe.
4:21b.EXO.004.021 Wathi uYehova kuMoses, Ekuhambeni kwakho ubuyela eYiputa, uze ukhangele ukuba uzenze phambi koFaro zonke izimanga, endizibeke esandleni sakho. Ke mna ndiya kuyenza lukhuni intliziyo yakhe, angabandululi abantu.
4:22b.EXO.004.022 Wothi kuFaro, Utsho uYehova ukuthi, Unyana wam wamazibulo nguSirayeli;
4:23b.EXO.004.023 ndithi kuwe, Mndulule unyana wam lowo, andikhonze; walile nje ukumndulula, uyabona, ndombulala unyana wakho, amazibulo akho.
4:24b.EXO.004.024 Kwathi, endleleni apho balalisa khona, uYehova wamhlangabeza, wafuna ukumbulala.
4:25b.EXO.004.025 UTsipora wathabatha intshengece, wanqumla inyama yokwaluswa yonyana wakhe, wayiphosa ezinyaweni zakhe, wathi, Ungumyeni wamagazi kum.
4:26b.EXO.004.026 Wamyeka ke. Watsho oko ukuthi, Ungumyeni wamagazi, ngenxa yolwaluko.
4:27b.EXO.004.027 Wathi uYehova kuAron, Hamba uye kukhawulela uMoses entlango. Waya ke, wamhlangabeza entabeni kaThixo, wamanga.
4:28b.EXO.004.028 UMoses wamxelela uAron onke amazwi kaYehova abemthume wona, nemiqondiso yonke abemwisele umthetho ngayo.
4:29b.EXO.004.029 Wahamba uMoses noAron, bawahlanganisa onke amadoda amakhulu oonyana bakaSirayeli.
4:30b.EXO.004.030 Wawathetha uAron onke amazwi abewathethile uYehova kuMoses, wayenza nemiqondiso phambi kwabantu.
4:31b.EXO.004.031 Bakholwa abantu, beva ukuba uYehova ubavelele oonyana bakaSirayeli wazibona iintsizi zabo, bathoba baqubuda.
5
5:1b.EXO.005.001 Emveni koko beza ooMoses noAron, bathi kuFaro, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Bandulule abantu bam, bandenzele umthendeleko entlango.
5:2b.EXO.005.002 Wathi uFaro, Ngubani na uYehova, ukuba ndiphulaphule izwi lakhe, lokuba ndindulule uSirayeli? Andimazi uYehova, kananjalo andiyi kumndulula uSirayeli.
5:3b.EXO.005.003 Bathi ke, UThixo wamaHebhere uhlangene nathi; makhe sihambe entlango uhambo lweentsuku ezintathu, sibingelele kuYehova uThixo wethu, hleze asiqwele ngendyikitya yokufa nangekrele.
5:4b.EXO.005.004 Wathi ukumkani waseYiputa kubo, Yini na, nina Moses noAron, ukuba nibakhulule abantu emisebenzini yabo? Yiyani emithwalweni yenu.
5:5b.EXO.005.005 Wathi uFaro, Yabonani, baninzi abantu belizwe ngoku, ke nina niyabaphumza emithwalweni yabo.
5:6b.EXO.005.006 UFaro wabawisela umthetho abaphathi nabaqhubi-kalukhuni babantu ngaloo mini, esithi,
5:7b.EXO.005.007 Ize ningabi sabanika abantu umququ wokwenza izitena, njengokwangaphambili; mabaye ngokwabo, bazibuthele umququ;
5:8b.EXO.005.008 nenani ababelenza njengokwangaphambili, bamiseleni lona; ize ningalinciphisi, kuba bayahiliza; kuko le nto bakhalayo, besithi, Masiye kubingelela kuThixo wethu.
5:9b.EXO.005.009 Mawube nzima umsebenzi phezu kwamadoda, asebenze wona, angaphulaphuli amazwi obuxoki.
5:10b.EXO.005.010 Baphuma ke abaphathi nabaqhubi-kalukhuni babantu, bathetha ebantwini bathi, Utsho uFaro ukuthi, Andiyi kuninika mququ;
5:11b.EXO.005.011 yiyani nina, nizithabathele umququ apho ningawufumana khona; kuba akuyi kuncitshiswa nto emsebenzini wenu.
5:12b.EXO.005.012 Baphalazeka abantu ezweni lonke laseYiputa, babutha iindiza endaweni yomququ.
5:13b.EXO.005.013 Abaqhubi-kalukhuni babantu babangxamisa, besithi, Yisebenzeni imisebenzi yenu, into yemini ngangemini yayo, ngangokuya naninomququ.
5:14b.EXO.005.014 Babethwa ke abaphathi boonyana bakaSirayeli, ababemiswe phezu kwabo ngabaqhubi-kalukhuni babantu bakaFaro, kusithiwa, Kungathuba lini na, ukuba ningagqibi ukwenza izitena enizimiselweyo izolo nanamhla, njengokwangaphambili?
5:15b.EXO.005.015 Baya abaphathi boonyana bakaSirayeli, bakhala kuFaro, besithi, Yini na ukuba wenjenje kubakhonzi bakho?
5:16b.EXO.005.016 Abakhonzi bakho aba abanikwa mququ; kuthiwa ke kuthi, Yenzani izitena. Yabona, abakhonzi bakho aba bayabethwa, kanti kona abantu bakho abo.
5:17b.EXO.005.017 Wathi, Kuhiliza nina; niyahiliza, kuko le nto nithi, Masiye sibingelele kuYehova.
5:18b.EXO.005.018 Yiyani ke ngoku, nisebenze; aniyi kunikwa mququ; ke lona inani lezitena niya kulirhola.
5:19b.EXO.005.019 Babona abaphathi boonyana bakaSirayeli ukuba basebubini, kusithiwa nje, Aniyi kunciphisa nto eziteneni zenu, kwinto yemini ngangemini yayo.
5:20b.EXO.005.020 Baqubisana noMoses noAron, beza kubo ekuphumeni kwabo kuFaro.
5:21b.EXO.005.021 Bathi kubo, UYehova makanikhangele, agwebe; ekubeni nilinukisile ivumba lethu phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, ukuba kubekwe ikrele lokusibulala esandleni sabo.
5:22b.EXO.005.022 Wabuyela kuYehova uMoses, esithi, Nkosi yam, yini na ukuba ubaphathe kakubi aba bantu? Yini na le nto uthume mna?
5:23b.EXO.005.023 Kususela koko ndangenayo kuFaro, ndithetha egameni lakho, yena ubaphethe kakubi aba bantu; akubahlangulanga nokubahlangula abantu bakho.
6
6:1b.EXO.006.001 Wathi uYehova kuMoses, Uya kukubona ngoku endiya kukwenza kuFaro, kuba uya kubandulula, abagxothe ezweni lakhe ngesandla esithe nkqi.
6:2b.EXO.006.002 Wathetha uThixo kuMoses, wathi kuye, NdinguYehova:
6:3b.EXO.006.003 ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi ngelokuba nguThixo uSomandla; ke ngegama lam lokuba nguYehova andazekanga kubo.
6:4b.EXO.006.004 Kananjalo ndawumisa nabo umnqophiso wam wokuba ndibanike ilizwe lakwaKanan, ilizwe lokuphambukela kwabo abaphambukela kulo.
6:5b.EXO.006.005 Kananjalo ndikuvile mna ukugula koonyana bakaSirayeli abakhonziswayo ngamaYiputa, ndawukhumbula umnqophiso wam.
6:6b.EXO.006.006 Yithi ngoko koonyana bakaSirayeli, ndinguYehova: ndiya kunikhupha phantsi kwemithwalo yamaYiputa, ndinihlangule enkonzweni yawo, ndinihlawulele, ndinikhulule ngengalo eyolukileyo, nangezigwebo ezikhulu;
6:7b.EXO.006.007 ndinithabathe nibe ngabantu bam, ndibe nguThixo wenu; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphayo phantsi kwemithwalo yamaYiputa;
6:8b.EXO.006.008 ndiningenise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kulinika nina, libe lilifa: ndinguYehova.
6:9b.EXO.006.009 Watsho ke uMoses koonyana bakaSirayeli; abamphulaphulanga uMoses, ngenxa yokukhathazeka, nangenxa yomsebenzi onzima.
6:10b.EXO.006.010 Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
6:11b.EXO.006.011 Yiya uthethe kuFaro ukumkani waseYiputa, abandulule oonyana bakaSirayeli, baphume ezweni lakhe.
6:12b.EXO.006.012 UMoses wathetha phambi koYehova, wathi, Yabona, oonyana bakaSirayeli abandiphulaphulanga; wothini na ke uFaro ukundiphulaphula, ndingomlomo ungalukanga nje?
6:13b.EXO.006.013 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, nakuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba babakhuphe oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa.
6:14b.EXO.006.014 Zizo ezi iintloko zezindlu zooyise: oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, nguHanoki, noFalu, nguHetseron, noKarmi; yiyo leyo imizalwane yakwaRubhen.
6:15b.EXO.006.015 Oonyana bakaSimon nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi; yiyo leyo imizalwane yakwaSimon.
6:16b.EXO.006.016 Ngawo la amagama oonyana bakaLevi ngenzala yabo: uGershon, noKehati, noMerari. Iminyaka yobudala bukaLevi yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe.
6:17b.EXO.006.017 Oonyana bakaGershon nguLibheni, noShimehi, ngokwemizalwane yabo.
6:18b.EXO.006.018 Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli. Iminyaka yobudala bukaKehati yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anamithathu.
6:19b.EXO.006.019 Oonyana bakaMerari nguMaheli, noMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngenzala yabo.
6:20b.EXO.006.020 UAmram wazeka uYokebhede, udade boyise, wangumkakhe; wamzalela uAron noMoses. Iminyaka yobudala buka-Amram yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe.
6:21b.EXO.006.021 Oonyana bakaItsare nguKora, noNefege, noZikri.
6:22b.EXO.006.022 Oonyana bakaUziyeli nguMishaheli, noElitsafan, noZitri.
6:23b.EXO.006.023 UAron wazeka uElishebha intombi ka-Aminadabhi, udade boNashon, wangumkakhe; wamzalela uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.
6:24b.EXO.006.024 Oonyana bakaKora nguAzire, noElikana, noAbhiyazafu; yiyo leyo imizalwane yamaKora.
6:25b.EXO.006.025 UElazare, unyana ka-Aron, wazeka umfazi ezintombini zikaPutiyeli; wamzalela uPinehasi. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ngokwemizalwane yabo.
6:26b.EXO.006.026 Ngulaa Aron noMoses, wathi kubo uYehova, Bakhupheni oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.
6:27b.EXO.006.027 Ngabo abo bathethayo kuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba abakhuphe oonyana bakaSirayeli eYiputa; ngabo Moses noAron.
6:28b.EXO.006.028 Kwathi, mhlana wathethayo uYehova kuMoses ezweni laseYiputa,
6:29b.EXO.006.029 wathetha uYehova kuMoses, wathi, NdinguYehova; thetha kuFaro, ukumkani waseYiputa, zonke izinto endizithethayo kuwe.
6:30b.EXO.006.030 Wathi uMoses phambi koYehova, Yabona, ndingomlomo ungalukanga; wothini na uFaro ukundiphulaphula?
7
7:1b.EXO.007.001 Wathi uYehova kuMoses, Khangela, ndikwenze uthixo kuFaro; ke uAron umkhuluwa wakho woba ngumprofeti wakho.
7:2b.EXO.007.002 Wena wothetha zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo; ke uAron umkhuluwa wakho wothetha kuFaro, aze abandulule oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.
7:3b.EXO.007.003 Ke mna ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo kaFaro, ndiyandise imiqondiso yam nezimanga zam ezweni laseYiputa.
7:4b.EXO.007.004 Akayi kuniphulaphula uFaro. Ke mna iYiputa ndiya kuyisa isandla, ndiyikhuphe imikhosi yam, abantu bam oonyana bakaSirayeli, ezweni laseYiputa ngezigwebo ezikhulu;
7:5b.EXO.007.005 azi amaYiputa, ekusoluleni kwam isandla sam phezu kweYiputa, ukuba ndinguYehova; ndibakhuphe oonyana bakaSirayeli phakathi kwawo.
7:6b.EXO.007.006 Wenza ke uMoses noAron; ngoko uYehova wabawisela umthetho ngako, benjenjalo.
7:7b.EXO.007.007 UMoses ubeminyaka imashumi asibhozo ezelwe, noAron ubeminyaka imashumi asibhozo anamithathu ezelwe, ukuthetha kwabo kuFaro.
7:8b.EXO.007.008 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wathi,
7:9b.EXO.007.009 Xa athe uFaro wathetha kuni, esithi, Ndiboniseni isimanga, wothi wena kuAron, Thabatha intonga yakho, uyiphose phambi koFaro; yoba yinyoka.
7:10b.EXO.007.010 Wangena uMoses noAron kuFaro; benza njengoko uYehova wabawisela umthetho, uAron wayiphosa intonga yakhe phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, yaba yinyoka.
7:11b.EXO.007.011 Naye uFaro wazibiza izilumko nabakhafuli; zenjenjalo nezazi ezo zaseYiputa, ngobugqi bazo.
7:12b.EXO.007.012 Elowo waphosa phantsi intonga yakhe, yaba yinyoka; yasuka intonga ka-Aron yaziginya iintonga zabo.
7:13b.EXO.007.013 Yaba lukhuni intliziyo kaFaro; akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.
7:14b.EXO.007.014 Wathi uYehova kuMoses, Intliziyo kaFaro iqaqadekile, akavumi ukubandulula abantu.
7:15b.EXO.007.015 Yiya kuFaro kusasa, nanko ephuma esiya emanzini. Uze ume elunxwemeni lomlambo malunga naye; intonga eyaguqukayo yaba yinyoka yiphathe esandleni.
7:16b.EXO.007.016 Uze uthi kuye, UYehova, uThixo wamaHebhere, undithume kuwe, esithi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza entlango; yabona ke, akuphulaphulanga unangoku.
7:17b.EXO.007.017 Utsho uYehova ukuthi, Uya kwazi ngale nto ke ukuba ndinguYehova. Yabona, ndiya kubetha ngentonga esesandleni sam emanzini omlambo, aguqulwe abe ligazi,
7:18b.EXO.007.018 zife iintlanzi ezisemlanjeni, unuke umlambo, amaYiputa abe nesicaphucaphu akuwasela amanzi omlambo.
7:19b.EXO.007.019 Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Thabatha intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kwamanzi aseYiputa, phezu kwemilambo yabo, naphezu kwemijelo yabo, naphezu kwamachibi abo, naphezu kweentlangano zonke zamanzi abo; abe ligazi, ibe ligazi ezweni lonke laseYiputa, nasemiphandeni yemithi neyamatye.
7:20b.EXO.007.020 OoMoses noAron benza njengoko uYehova wabawisela umthetho; wayiphakamisa intonga, wawabetha amanzi omlambo phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe; aza aguquka onke amanzi omlambo, aba ligazi.
7:21b.EXO.007.021 Zafa iintlanzi ezisemlanjeni, wanuka umlambo, akaba nako amaYiputa ukuwasela amanzi omlambo; laba ligazi ezweni lonke laseYiputa.
7:22b.EXO.007.022 Zenjenjalo ke nezazi zaseYiputa ngobugqi bazo, Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.
7:23b.EXO.007.023 Wajika uFaro, waya endlwini yakhe, akayibekela ntliziyo nale nto.
7:24b.EXO.007.024 Onke amaYiputa emba amanzi okusela ngeenxa zonke emlanjeni; kuba ebengenakuwasela amanzi omlambo.
7:25b.EXO.007.025 Kwazaliseka isixhenxe seentsuku emveni kokuwubetha kwakhe uYehova umlambo.
8
8:1b.EXO.008.001 Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
8:2b.EXO.008.002 Ke ukuba uthe akwavuma ukubandulula, uyabona, ndoyibetha yonke imida yakho ngamasele;
8:3b.EXO.008.003 umlambo unyakazele amasele, anyuke, angene endlwini yakho, nasesililini sakho, naphezu kwesingqengqelo sakho, nasendlwini yabakhonzi bakho, nasebantwini bakho, nasezimbizeni zakho, nasemikhumbini yakho yentlama;
8:4b.EXO.008.004 anyuke amasele lawo, eze nakuwe, nakubantu bakho, nakubakhonzi bakho bonke.
8:5b.EXO.008.005 Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Yolula isandla sakho eso sinentonga yakho phezu kwemilambo, naphezu kwemijelo, naphezu kwamachibi, unyuse amasele phezu kwelizwe laseYiputa.
8:6b.EXO.008.006 Wasolula ke uAron isandla sakhe phezu kwamanzi aseYiputa; enyuka amasele, aligubungela ilizwe laseYiputa.
8:7b.EXO.008.007 Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, zawanyusa amasele phezu kwelizwe laseYiputa.
8:8b.EXO.008.008 UFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Mthandazeni uYehova, awasuse amasele kum nasebantwini bam; ndobandulula abantu, baye kubingelela kuYehova.
8:9b.EXO.008.009 Wathi uMoses kuFaro, Zizukise ngokundimisela ixesha lokuba ndikuthandazele nini na, wena nabakhonzi bakho, nabantu bakho, anqunyulwe amasele kuwe nakwindlu yakho, asale emlanjeni wodwa.
8:10b.EXO.008.010 Wathi yena, Ngomso. Wathi ke, Makube ngokwelizwi lakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengoYehova uThixo wethu;
8:11b.EXO.008.011 asuke amasele kuwe, nakwizindlu zakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho; asale emlanjeni wodwa.
8:12b.EXO.008.012 Baphuma ke ooMoses noAron kuFaro; wadanduluka uMoses kuYehova ngendawo yamasele abewabeke phezu koFaro.
8:13b.EXO.008.013 Wenza uYehova ngokwelizwi likaMoses. Afa amasele ezindlwini, nasezintendelezweni, nasemasimini.
8:14b.EXO.008.014 Bawahlanganisa aziimfumba ngeemfumba; lanuka ilizwe.
8:15b.EXO.008.015 Uthe ke uFaro akuba nethuba lokuphefumla, wayenza lukhuni intliziyo yakhe, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova.
8:16b.EXO.008.016 Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Yolula intonga yakho, ulubethe uthuli lwelizwe lube ziingcongconi ezweni lonke laseYiputa.
8:17b.EXO.008.017 Benjenjalo. Wasolula uAron isandla sakhe eso sinentonga yakhe, walubetha uthuli lwelizwe, lwaba ziingcongconi ebantwini nasezinkomeni. Lonke uthuli lwelizwe lwaba ziingcongconi ezweni lonke laseYiputa.
8:18b.EXO.008.018 Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, ukuba zivelise iingcongconi, azaba nako. Kwakho iingcongconi ebantwini nasezinkomeni.
8:19b.EXO.008.019 Zathi izazi kuFaro, Ngumnwe kaThixo. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova.
8:20b.EXO.008.020 Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa ngomso, ume phambi koFaro, nanko ephuma esiya emanzini; uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
8:21b.EXO.008.021 Okanye ukuba uthe akwabandulula abantu bam, yabona, ndithuma izibawu kuwe, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, nasezindlwini zakho, zizale izindlu zamaYiputa zizibawu, nomhlaba akuwo;
8:22b.EXO.008.022 ndilibalule ngaloo mini lona ilizwe laseGoshen, abemi kulo abantu bam, kungabikho zibawu khona, ukuze wazi ukuba ndinguYehova phakathi kwelizwe;
8:23b.EXO.008.023 ndimise inkululo phakathi kwabantu bam nabantu bakho; lo mqondiso uya kubakho ngomso.
8:24b.EXO.008.024 Wenjenjalo uYehova. Kweza izibawu ezininzi endlwini kaFaro, nasezindlwini zabakhonzi bakhe, nasezweni lonke laseYiputa; lonakala ilizwe zizibawu.
8:25b.EXO.008.025 UFaro wabiza uMoses na-Aron, wathi, Yiyani nibingelele kuThixo wenu kweli lizwe.
8:26b.EXO.008.026 Wathi uMoses, Akulungisile ukwenjenjalo; kuba soba sibingelela amasikizi amaYiputa kuYehova uThixo wethu. Ukuba sithe sabingelela into engamasikizi kumaYiputa phambi kwawo, osixuluba ngamatye.
8:27b.EXO.008.027 Siya kuhamba uhambo lweentsuku ezintathu entlango, sibingelele kuYehova uThixo wethu, njengoko wothi asiyalele.
8:28b.EXO.008.028 Wathi uFaro, Ndiya kunindulula nina, niye kubingelela kuYehova uThixo wenu entlango, kodwa ize ningahambi niye kude; ndithandazeleni.
8:29b.EXO.008.029 Wathi uMoses, Yabona, ndiya kuphuma kuwe, ndithandaze kuYehova, zimke izibawu kuFaro, nakubakhonzi bakhe, nakubantu bakhe ngomso, kodwa makangaphindi uFaro akhohlise ngokungabandululi abantu, baye kubingelela kuYehova.
8:30b.EXO.008.030 Wemka uMoses, wathandaza kuYehova.
8:31b.EXO.008.031 Wenza uYehova ngokwelizwi likaMoses, wazisusa izibawu kuFaro, nakubakhonzi bakhe, nakubantu bakhe; akwasala nasinye.
8:32b.EXO.008.032 UFaro wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, nangesi sihlandlo, akabandulula abantu.
9
9:1b.EXO.009.001 Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthethe naye, uthi, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
9:2b.EXO.009.002 Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula,
9:3b.EXO.009.003 waba usababambile, yabona, isandla sikaYehova soba semfuyweni yakho esendle, emahasheni, emaesileni, ezinkameleni, ezinkomeni, nasempahleni emfutshane, senze indyikitya yokufa enzima kunene;
9:4b.EXO.009.004 uYehova ayibalule imfuyo yamaSirayeli kwimfuyo yamaYiputa: akuyi kufa nto kuyo yonke eyoonyana bakaSirayeli.
9:5b.EXO.009.005 UYehova umise ixesha elithile, wathi, Ngomso uYehova uya kuyenza le nto kweli lizwe.
9:6b.EXO.009.006 Wayenza ke uYehova le nto ngengomso. Yafa yonke imfuyo yamaYiputa; ke kweyoonyana bakaSirayeli imfuyo akufanga nanye.
9:7b.EXO.009.007 UFaro wasusa umntu. O, kweyamaSirayeli imfuyo akufanga nokuba ibe nye. Yaqaqadeka intliziyo kaFaro, akabandulula abantu.
9:8b.EXO.009.008 Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Thabathani uthuthu lweziko, nizalise izandla zozibini, uMoses aluphose phezulu esibhakabhakeni phambi koFaro,
9:9b.EXO.009.009 lube luthuli ezweni lonke laseYiputa, lube ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini, nasezinkomeni, ezweni lonke laseYiputa.
9:10b.EXO.009.010 Baluthabatha ke uthuthu lweziko, bema phambi koFaro; uMoses waluphosa phezulu esibhakabhakeni, lwaba ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini nasezinkomeni.
9:11b.EXO.009.011 Azaba nako izazi ukuma phambi koMoses ngenxa yamathumba; kuba amathumba abakho kwizazi nakumaYiputa onke.
9:12b.EXO.009.012 UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova kuMoses.
9:13b.EXO.009.013 Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa, ume phambi koFaro, uthi kuye, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
9:14b.EXO.009.014 Kuba ngesi sihlandlo ndithuma zonke izibetho zam entliziyweni yakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengam ehlabathini lonke.
9:15b.EXO.009.015 Kuba ngoku, ukuba bendithe ndasolula isandla sam, ndakubetha wena nabantu bakho ngendyikitya yokufa, ngewuthe shwaka akwabakho ehlabathini.
9:16b.EXO.009.016 Noko ke ndikumisele eli thuba lokuba ndiwabonakalalise amandla am kuwe, laziswe igama lam ehlabathini lonke.
9:17b.EXO.009.017 Unangoku usazenza udonga kubantu bam, akubandululi.
9:18b.EXO.009.018 Yabona, eli xa ngomso ndiya kunisa isichotho esinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso eYiputa, kususela kwimini eyasekwayo kude kube ngoku.
9:19b.EXO.009.019 Thumela ngoku, ukhawuleze, uhlanganise imfuyo yakho, neento zakho zonke onazo ezindle; bonke abantu neenkomo ezifunyenwe endle zingahlanganiselwanga ekhaya, zohlelwa sisichotho, zife.
9:20b.EXO.009.020 Owaloyikayo ilizwi likaYehova kubakhonzi bakaFaro, wabasabisela ezindlwini abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe.
9:21b.EXO.009.021 Ongalibekelanga ntliziyo ilizwi likaYehova, wabayeka abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe endle.
9:22b.EXO.009.022 Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho isichotho ezweni lonke laseYiputa phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemifuno yonke yasendle, ezweni lonke laseYiputa.
9:23b.EXO.009.023 UMoses wayolulela intonga yakhe ezulwini; uYehova wathoba indudumo nesichotho, nomlilo wehla weza emhlabeni. UYehova walinisela isichotho ilizwe laseYiputa.
9:24b.EXO.009.024 Kwabakho ke isichotho, nomlilo obophene phakathi kwesichotho, sinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso ezweni lonke lamaYiputa, kususela oko aba luhlanga.
9:25b.EXO.009.025 Isichotho sayibetha yonke into esendle ezweni lonke laseYiputa, kwathabathela emntwini kwesa enkomeni; sayibetha isichotho yonke imifuno yasendle, sayaphula yonke imithi yasendle.
9:26b.EXO.009.026 Kodwa ezweni laseGoshen, apho babekhona oonyana bakaSirayeli, akubangakho sichotho.
9:27b.EXO.009.027 Wathuma uFaro, wabiza uMoses noAron, wathi kubo, Ndonile okwesi sihlandlo. UYehova ulilungisa, ke mna nabantu bam asindawo.
9:28b.EXO.009.028 Thandazani kuYehova; kwanele ukubakho kweendudumo zikaThixo nesichotho; ndonindulula ningabi sahlala.
9:29b.EXO.009.029 UMoses wathi kuye, Ekuphumeni kwam phakathi komzi, ndozolulela kuYehova izandla zam, ziyeke iindudumo, nesichotho singabi sabakho, ukuze wazi ukuba umhlaba lo ngokaYehova.
9:30b.EXO.009.030 Ke wena nabakhonzi bakho, ndiyazi ukuba aniyi kwandula nimoyike uYehova uThixo.
9:31b.EXO.009.031 Yabhuqwa iflakisi nerhasi, kuba irhasi ibiselidubule, neflakisi ibiselityatyambile.
9:32b.EXO.009.032 Ke yona ingqolowa nespelete ayibhuqwanga; kuba ibisencinane.
9:33b.EXO.009.033 Waphuma uMoses phakathi komzi, wemka kuFaro, wazolulela izandla zakhe kuYehova, zayeka iindudumo nesichotho, yathula imvula emhlabeni.
9:34b.EXO.009.034 Wabona uFaro ukuba iphelile imvula nesichotho neendudumo, waphinda wona, wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, yena nabakhonzi bakhe.
9:35b.EXO.009.035 Yaba lukhuni ke intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli, njengoko watshoyo uYehova ngoMoses.
10
10:1b.EXO.010.001 Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro; kuba mna ndiyiqaqadekisile intliziyo yakhe, nentliziyo yabakhonzi bakhe, ukuze ndibonakalalise le miqondiso yam phakathi kwalo ilizwe;
10:2b.EXO.010.002 ukuze ubalise, ezindlebeni zonyana wakho nezonyana wonyana wakho, izenzo ezincamisileyo endizenzileyo kumaYiputa, nemiqondiso yam endiyibonakalalisileyo phakathi kwawo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova.
10:3b.EXO.010.003 Waya uMoses noAron kuFaro, bathi kuye, Utsho uYehova, uThixo wamaHebhere, ukuthi, Kunini na ungavumi ukuzithoba phambi kwam? Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
10:4b.EXO.010.004 Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula abantu bam, uyabona, ngomso ndozisa iinkumbi emideni yakho;
10:5b.EXO.010.005 zibugubungele ubuso belizwe, lingabi nakubonwa ilizwe, zidle intsalela esindileyo, enisalele esichothweni, zidle yonke imithi enihlumelayo endle;
10:6b.EXO.010.006 zizalise izindlu zakho, nezindlu zabakhonzi bakho bonke, nezindlu zamaYiputa onke: iinkumbi ezingabonwanga ngooyihlo noonyokokhulu, kususela kwiimini ababekho ngazo emhlabeni, unanamhla. Wajika, waphuma kuFaro.
10:7b.EXO.010.007 Bathi abakhonzi bakaFaro kuye, Koda kube nini na, lo engumgibe kuthi? Bandulule abantu, baye kukhonza uYehova uThixo wabo. Akukazi na, kuhleliwe nje, ukuba iYiputa iza kutshabalala?
10:8b.EXO.010.008 Baza ooMoses noAron babuyiselwa kwakuFaro; wathi kubo, Hambani, niye kukhonza uYehova uThixo wenu; kuhamba oobani noobani ke?
10:9b.EXO.010.009 Wathi uMoses, Siya kuhamba nolutsha neengwevu zakowethu, sihambe noonyana bethu neentombi zethu, nempahla yethu emfutshane neenkomo zethu; kuba kuthi ngumthendeleko kaYehova.
10:10b.EXO.010.010 Wathi kubo, Makube njalo kambe; uYehova makabe nani, njengokuba ndinindulula nina nentsapho yenu. Khangelani, kukho ububi phambi kwenu.
10:11b.EXO.010.011 Makungabi njalo; makuhambe nina bangamadoda, niye kukhonza uYehova; kuba nibe nifuna oko. Bagxothwa, baphuma ebusweni bukaFaro.
10:12b.EXO.010.012 Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kwelizwe laseYiputa, kuze iinkumbi, zinyuke kulo ilizwe laseYiputa, ziyidle yonke imifuno yelizwe eli, yonke into eshiywe sisichotho.
10:13b.EXO.010.013 Wayolula uMoses intonga yakhe phezu kwelizwe laseYiputa, uYehova waqhuba umoya wasempumalanga kwelo lizwe yonke loo mini nobusuku bonke; kwakusa, umoya wasempumalanga wazithwala iinkumbi.
10:14b.EXO.010.014 Zenyuka iinkumbi kulo lonke ilizwe laseYiputa; zeza zahlala emideni yonke yaseYiputa, zininzi kunene; ekungazanga phambi kwazo kubekho zinkumbi zingako, kwabe emva kwazo kungasayi kubakho zinjalo.
10:15b.EXO.010.015 Zabugubungela ubuso belizwe lonke, laba mnyama ilizwe; zayidla yonke imifuno yelizwe neziqhamo zonke zemithi, ezazishiywe sisichotho; akwasala nanye into eluhlaza emthini nasemifunweni yasendle, ezweni lonke laseYiputa.
10:16b.EXO.010.016 Wakhawuleza uFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Ndonile kuYehova uThixo wenu nakuni.
10:17b.EXO.010.017 Kaloku khanisixolele isono sam okwesi sihlandlo sodwa, nithandaze kuYehova uThixo wenu, akususe kum oku kufa kodwa.
10:18b.EXO.010.018 Waphuma kuFaro, wathandaza kuYehova.
10:19b.EXO.010.019 UYehova wawuguqula umoya, waba ngowasentshonalanga onamandla kunene, wazithwala iinkumbi, wazidiba eLwandle oluBomvu; akwasala nanye inkumbi, emideni yonke yaseYiputa.
10:20b.EXO.010.020 Wayenza lukhuni uYehova intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli.
10:21b.EXO.010.021 Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa.
10:22b.EXO.010.022 Wasolulela uMoses isandla sakhe ezulwini; kwabakho ubumnyama obusithokothoko ezweni lonke laseYiputa imihla emithathu.
10:23b.EXO.010.023 Ababonana; akwasuka bani endaweni yakhe imihla emithathu; ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli kwabakho ukukhanya emakhayeni abo.
10:24b.EXO.010.024 UFaro wabiza uMoses, wathi, Hambani niye kukhonza uYehova; kodwa impahla yenu emfutshane neenkomo zenu mazisale; nayo intsapho yenu yohamba nani.
10:25b.EXO.010.025 Wathi uMoses, Wena uze usinike imibingelelo namadini anyukayo ezandleni zethu, sibingelele kuYehova uThixo wethu;
10:26b.EXO.010.026 nemfuyo yethu ihambe nathi; akuyi kusala nophuphu olunye; kuba sothabatha kuyo ukukhonza uYehova uThixo wethu; kuba thina asazi ukuba somkhonza ngantoni na uYehova, side sifike khona.
10:27b.EXO.010.027 UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akavuma ukubandulula.
10:28b.EXO.010.028 Wathi uFaro kuye, Hamba umke kum, uze uzigcine, ungaphindi ububone ubuso bam; kuba mhlana ububonileyo ubuso bam uya kufa.
10:29b.EXO.010.029 Wathi uMoses, Utyaphile utsho; andisayi kuphinda ndibubone ubuso bakho.
11
11:1b.EXO.011.001 UYehova wathi kuMoses, Ndisaya kufikisa sibetho sinye phezu koFaro naphezu kweYiputa, emveni koko wonindulula nimke apha; xa anindulula kuphele, uya kunigxotha kanye, nimke apha.
11:2b.EXO.011.002 Khawuthethe ezindlebeni zabantu, ithi inkazana icele kummelwane wayo, indoda icele kummelwane wayo, iimpahla zesilivere neempahla zegolide.
11:3b.EXO.011.003 UYehova wabababala abantu emehlweni amaYiputa. Kananjalo indoda leyo inguMoses yayinkulu kunene ezweni laseYiputa kubakhonzi bakaFaro nasebantwini.
11:4b.EXO.011.004 Wathi uMoses, Utsho uYehova ukuthi, Xa kuphakathi kobusuku, ndiya kuphuma ndihambe phakathi kweYiputa,
11:5b.EXO.011.005 afe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kumazibulo kaFaro, ohleliyo etroneni yakhe, ese kumazibulo omkhonzazana osemva kwamatye okusila, namazibulo onke eenkomo;
11:6b.EXO.011.006 kubekho isikhalo esikhulu ezweni lonke laseYiputa, ekungazanga kubekho sinjalo, kwaye kungayi kuphinda kubekho sinjalo.
11:7b.EXO.011.007 Ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli, akukho nja iya kubavungamela, kuthabathela emntwini kuse ezinkomeni; ukuze nazi ukuba uYehova uyawahlula amaYiputa kumaSirayeli;
11:8b.EXO.011.008 behle bonke abakhonzi bakho abo, beze kum, baqubude kum, besithi, Phuma wena nabantu bonke abakulandelayo; ndiphume ke emveni koko. Waza waphuma kuFaro, evutha ngumsindo.
11:9b.EXO.011.009 UYehova wathi kuMoses, Akayi kuniphulaphula uFaro, ukuze zande izimanga zam ezweni laseYiputa.
11:10b.EXO.011.010 UMoses noAron bazenza ke ezi zimanga zonke phambi koFaro; uYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.
12
12:1b.EXO.012.001 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron ezweni laseYiputa, wathi,
12:2b.EXO.012.002 Le nyanga kuni iyintloko yeenyanga; kuni yeyokuqala ezinyangeni zomnyaka.
12:3b.EXO.012.003 Thethani kwibandla lonke lakwaSirayeli, nithi, Ngolweshumi usuku kule nyanga elowo makazithabathele ixhwane, ngokwenzindlu zooyise, ixhwane ngendlu.
12:4b.EXO.012.004 Ukuba ithe indlu yancinane exhwaneni, makathabathe ixhwane yena enommelwane wakhe okufuphi nendlu yakhe, ngokwenani labantu; elowo ngangokokudla kwakhe nombalela exhwaneni.
12:5b.EXO.012.005 Ixhwane lenu malibe liduna eligqibeleleyo, elimnyaka mnye; nolithabatha ezigusheni nokuba kusezibhokhweni.
12:6b.EXO.012.006 Nize niligcine kude kube lusuku lweshumi elinesine lwale nyanga, silixhele ke sonke isikhungu sebandla lakwaSirayeli lakutshona ilanga;
12:7b.EXO.012.007 bacaphule egazini, baliqabe emigubasini yomibini nasemqadini wezindlu eliya kudlelwa kuzo ngabo;
12:8b.EXO.012.008 bayidle inyama ngobo busuku, yosiwe ngomlilo, inezonka ezingenagwele, bayidle nemithana ekrakra.
12:9b.EXO.012.009 Musani ukudla ndawo ikrwada kuyo, nandawo ikuphekwa iphekwe ngamanzi; mayosiwe ngomlilo: intloko yalo namanqina alo nezibilini zalo.
12:10b.EXO.012.010 Nize ningasalisi ndawo yalo kude kuse; okuseleyo kulo kwada kwasa nokutshisa ngomlilo.
12:11b.EXO.012.011 Nize nenjenje ukulidla; nodla nibhinqile, nineembadada ezinyaweni zenu, ninentonga esandleni senu, nilidle buphuthuphuthu: leyo yipasika kuYehova.
12:12b.EXO.012.012 Ndiya kucanda ezweni laseYiputa ngobu busuku, ndibethe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndithabathele emntwini ndise enkomeni, ndenze izigwebo koothixo bonke baseYiputa, mna Yehova.
12:13b.EXO.012.013 Igazi elo loba ngumqondiso kuni ezindlwini enikuzo. Ndolibona igazi, ndigqithe kuni, singabikho kuni isibetho esonakalisayo, ekulibetheni kwam ilizwe laseYiputa.
12:14b.EXO.012.014 Le mini yoba sisikhumbuzo kuni, niyenze umthendeleko kuYehova; ezizukulwaneni zenu niyenze ummiselo ongunaphakade.
12:15b.EXO.012.015 Nodla izonka ezingenagwele iintsuku zibe sixhenxe; kwangosuku lokuqala nolisusa igwele ezindlwini zenu; kuba bonke abadla isonka esinegwele, kususela kolokuqala kude kube lusuku lwesixhenxe, bonqanyulwa bangabikho kwaSirayeli.
12:16b.EXO.012.016 Ngomhla wokuqala kobakho intlanganiso engcwele, nangomhla wesixhenxe kobakho intlanganiso engcwele kuni. Akuyi kwenziwa msebenzi ngawo, ingengulowo wokudla komntu; nguwo wodwa eningazenzelayo.
12:17b.EXO.012.017 Nize nigcine umthendeleko wezonka ezingenagwele; kuba kanye ngayo loo mini ndayikhupha imikhosi yenu ezweni laseYiputa; niwugcine loo mhla kwizizukulwana zenu, ube ngummiselo ongunaphakade.
12:18b.EXO.012.018 Ngeyokuqala inyanga, ngosuku lweshumi elinesine enyangeni leyo, ngokuhlwa, nodla izonka ezingenagwele, kude kuse kusuku lwamashumi omabini analunye lwenyanga leyo, ngokuhlwa.
12:19b.EXO.012.019 Ze kungafunyanwa gwele ezindlwini zenu iintsuku ezisixhenxe; kuba bonke abadla into enegwele bonqanyulwa bangabikho ebandleni lakwaSirayeli, nokuba ngumphambukeli, nokuba ngozalelwe kuloo ndawo.
12:20b.EXO.012.020 Yonke into enegwele nize ningayidli; emakhayeni enu onke nodla izonka ezingenagwele.
12:21b.EXO.012.021 Wawabiza uMoses onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, wathi kuwo, Hambani niye, nizithabathele ixhwane ngokwemizalwane yenu, nixhele ipasika.
12:22b.EXO.012.022 Nithabathe isipha sehisope, nisithi nkxu egazini elisengqayini, niqabe emqadini nasemigubasini yomibini ngegazi elisengqayini; ke kuni ze kungaphumi mntu emnyango wendlu yakhe kude kuse.
12:23b.EXO.012.023 UYehova uya kucanda, awabulale amaYiputa. Akulibona igazi emqadini nasemigubasini yomibini, wogqitha uYehova emnyango, angamvumeli umonakalisi ukuba angene ezindlwini zenu, abulale.
12:24b.EXO.012.024 Woligcina elo zwi libe ngummiselo kuwe, nakoonyana bakho kude kuse ephakadeni.
12:25b.EXO.012.025 Nothi, nakufika ezweni aya kuninika uYehova, njengoko watshoyo, niyigcine le nkonzo.
12:26b.EXO.012.026 Kothi, xa bathe oonyana benu kuni, Iyintoni na le nkonzo kuni?
12:27b.EXO.012.027 nithi ke, Ngumbingelelo wepasika kuYehova, owagqitha ezindlwini zoonyana bakaSirayeli eYiputa; ekubulaleni kwakhe amaYiputa, wazihlangula izindlu zethu.
12:28b.EXO.012.028 Bathoba abantu, baqubuda. Bahamba oonyana bakaSirayeli, baya kwenza; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo.
12:29b.EXO.012.029 Kwathi ke phakathi kobusuku, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, kwathabathela kowamazibulo kaFaro ohleliyo etroneni yakhe, kwasa kowamazibulo omthinjwa osentolongweni engumhadi, namazibulo onke eenkomo.
12:30b.EXO.012.030 Wavuka uFaro ebusuku, yena nabakhonzi bakhe bonke, namaYiputa onke; kwabakho isikhalo esikhulu eYiputa; kuba akubangakho ndlu ingenamntu ufileyo.
12:31b.EXO.012.031 Wabiza uMoses noAron ebusuku, wathi, Sukani niphume phakathi kwabantu bam, nina aba noonyana bakaSirayeli, nihambe niye kumkhonza uYehova, njengokutsho kwenu;
12:32b.EXO.012.032 nempahla yenu emfutshane neenkomo zenu zithabatheni, njengoko natshoyo, nihambe; nam nindisikelele.
12:33b.EXO.012.033 AmaYiputa ajokisa ukubandulula abantu ngobungxamo kwelo zwe; kuba abesithi, Sonke sesifile.
12:34b.EXO.012.034 Abantu bayithabatha intlama yabo ingekabi nagwele, imikhumbi yabo yokuxovulela isongelwe ezingutyeni zabo, ibotshelelwe emagxeni abo.
12:35b.EXO.012.035 Oonyana bakaSirayeli benza ngokwelizwi likaMoses; bacela kumaYiputa iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, neengubo.
12:36b.EXO.012.036 UYehova wabababala abantu phambi kwamaYiputa, abenza ukuba bacele. Bawaphanga ke amaYiputa.
12:37b.EXO.012.037 Banduluka ke oonyana bakaSirayeli eRameses, baya eSukoti, amadoda eenyawo engathi akumakhulu omathandathu amawaka, ngaphandle kosapho.
12:38b.EXO.012.038 Kwenyuka ke nabo inkitha engumxube, nempahla emfutshane, neenkomo, imfuyo eninzi kunene.
12:39b.EXO.012.039 Bosa amaqebengwana angenagwele entlama, ababephume nayo eYiputa, kuba ibingenagwele; kuba bagxothwa eYiputa ababa nakulibala, kananjalo babengazenzelanga mphako.
12:40b.EXO.012.040 Ke ukuhlala koonyana bakaSirayeli, abakuhlalayo eYiputa, yiminyaka emakhulu mane aneminyaka emanci mathathu.
12:41b.EXO.012.041 Ekupheleni kweminyaka emakhulu mane, aneminyaka emanci mathathu, kwathi, kanye ngayo loo mini, yaphuma yonke imikhosi kaYehova ezweni laseYiputa.
12:42b.EXO.012.042 Bubusuku obo bokugcina kukaYehova, kuba wabakhupha ezweni laseYiputa. Bubusuku bukaYehova obo bokugcinwa ngoonyana bakaSirayeli bonke, ezizukulwaneni zabo.
12:43b.EXO.012.043 Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ummiselo wepasika ngulo: Bonke oonyana bolunye uhlanga abasayi kudla kuyo.
12:44b.EXO.012.044 Onke amakhoboka, abantu abazuzwe ngemali, uze uwaluse, andule ke ukudla kuyo.
12:45b.EXO.012.045 Olundwendwe nongumqeshwa akasayi kudla kuyo.
12:46b.EXO.012.046 Yodlelwa ndlwini-nye; akusayi kusa nto yaloo nyama ngaphandle kwendlu, anisayi kwaphula thambo layo.
12:47b.EXO.012.047 Lonke ibandla lakwaSirayeli loyenza loo nto.
12:48b.EXO.012.048 Xa athe owasemzini waphambukela kuwe, wenza ipasika kuYehova, mayaluswe yonke into eyindoda kuye, andule ke ukusondela, ayenze, abe njengozalelwe kwelo zwe; bonke abangaluswanga abasayi kudla kuyo.
12:49b.EXO.012.049 Woba mnye umyalelo, kozalelwe kwelo zwe, nakowasemzini ophambukele phakathi kwenu.
12:50b.EXO.012.050 Benza ke bonke oonyana bakaSirayeli; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo.
12:51b.EXO.012.051 Kwathi, ngayo kanye loo mini, uYehova wabakhupha oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.
13
13:1b.EXO.013.001 UYehova wathetha kuMoses, wathi,
13:2b.EXO.013.002 Ndingcwalisele onke amazibulo, yonke into evula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, kumntu nakwinkomo; yeyam.
13:3b.EXO.013.003 Wathi uMoses ebantwini, Yikhumbuleni le mini niphume ngayo eYiputa, endlwini yobukhoboka; kuba uYehova unikhuphe kule ndawo ngesithe nkqi isandla; ize ke kungadliwa nto inegwele.
13:4b.EXO.013.004 Lo ngumhla eniphume ngawo ngenyanga enguAbhibhi.
13:5b.EXO.013.005 Kothi, xa uYehova anifikisileyo ezweni lamaKanan, lamaHiti, lama-Amori, lamaHivi, lamaYebhusi, awalifungela ooyihlo ukubanika, izwe elibaleka amasi nobusi, ukhonze ngale nkonzo kule nyanga:
13:6b.EXO.013.006 nidle izonka ezingenagwele iintsuku ezisixhenxe; ke usuku lwesixhenxe lungumthendeleko kuYehova;
13:7b.EXO.013.007 izonka ezingenagwele zodliwa iintsuku ezisixhenxe; kungabonwa kuwe nto inegwele, kungabonwa gwele kuwe emideni yakho yonke.
13:8b.EXO.013.008 Uze umxelele unyana wakho ngaloo mini, uthi, Ndikwenza oku ngenxa yoko uYehova wakwenzayo kum ekuphumeni kwam eYiputa;
13:9b.EXO.013.009 kuze kube ngumqondiso kuwe osesandleni sakho, ube sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, ukuze umyalelo kaYehova ube semlonyeni wakho; kuba uYehova ukukhuphe eYiputa ngesithe nkqi isandla.
13:10b.EXO.013.010 Uze uwugcine lo mmiselo ngexesha lawo elimisiweyo imihla kamihla.
13:11b.EXO.013.011 Kothi, xa akufikisileyo uYehova ezweni lamaKanan, njengoko wafungayo kuwe nakooyihlo, wakunika lona,
13:12b.EXO.013.012 uyidlulisele kuYehova yonke into evula isizalo, into yonke elizibulo lenkomo, oya kuba nayo; amaduna oba ngakaYehova.
13:13b.EXO.013.013 Into yonke elizibulo le-esile woyikhulula ngokuyimisela ngexhwane; ke ukuba uthe akwayikhulula ngokuyimisela, woyaphula ilungu lentamo. Yonke into elizibulo lomntu koonyana bakho, nayo woyikhulula ngokuyimisela.
13:14b.EXO.013.014 Kothi, xa unyana wakho akubuzayo ngexesha elizayo, esithi, Yintoni na le nto? uze uthi kuye, UYehova wasikhupha eYiputa, endlwini yobukhoboka, ngesithe nkqi isandla;
13:15b.EXO.013.015 kwathi, xa uFaro wayelukhuni ukusindulula, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kwizibulo lomntu, wesa kwizibulo lenkomo; kungenxa yoko, le nto ndibingelela kuYehova yonke into evula isizalo eliduna, ndiyikhulule ngokuyimisela yonke into elizibulo koonyana bam;
13:16b.EXO.013.016 ibe ngumqondiso esandleni sakho, ibe sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, kuba uYehova wasikhupha eYiputa ngesithe nkqi isandla.
13:17b.EXO.013.017 Kwathi, akubandulula uFaro abantu, uThixo akabakhokela ngendlela yelizwe lamaFilisti, nakuba ibimfutshane yona: kuba wathi uThixo, hleze abantu bazohlwaye bakubona imfazwe, babuyele eYiputa.
13:18b.EXO.013.018 UThixo wabazungulezisa abantu ngendlela yentlango yoLwandle oluBomvu. Banyuka bexhobile oonyana bakaSirayeli, bevela ezweni laseYiputa.
13:19b.EXO.013.019 UMoses wawathabatha wahamba nawo amathambo kaYosefu; kuba wayebafungisile nokubafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo uya kunivelela okunene; nize niwanyuse amathambo am, emke nani kule ndawo.
13:20b.EXO.013.020 Banduluka eSukoti, balalisa e-Etam, enyeleni yentlango.
13:21b.EXO.013.021 UYehova wahamba phambi kwabo ngomqulu welifu emini, ebakhokela ngendlela; ngomqulu womlilo ebusuku, ebakhanyisela, ukuze bahambe imini nobusuku.
13:22b.EXO.013.022 Awusukanga umqulu welifu emini, nomqulu womlilo ebusuku, phambi kwabantu.
14
14:1b.EXO.014.001 Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
14:2b.EXO.014.002 Thetha koonyana bakaSirayeli ukuba bajike, bamise iintente phambi kwePi-hahiroti, phakathi kweMigdoli nolwandle, phambi kweBhahali-tsefon, malunga nayo, nimise ngaselwandle.
14:3b.EXO.014.003 Uya kuthi uFaro ngoonyana bakaSirayeli, Badidekile ezweni, intlango ibavingcele.
14:4b.EXO.014.004 Ndoyenza lukhuni intliziyo kaFaro, abasukele, ndizukiseke ngoFaro nangempi yakhe yonke, azi amaYiputa ukuba ndinguYehova. Benjenjalo ke.
14:5b.EXO.014.005 Waxelelwa ukumkani waseYiputa, ukuba abantu babalekile; yaba yeyimbi intliziyo kaFaro neyabakhonzi bakhe kubantu, bathi, Siyenzele ntoni na le nto, yokusuka simndulule uSirayeli ekusikhonzeni?
14:6b.EXO.014.006 Wayibopha inqwelo yakhe yokulwa, wabathabatha abantu bakhe, bahamba naye.
14:7b.EXO.014.007 Wathabatha amakhulu omathandathu eenqwelo zokulwa ezikhethiweyo, neenqwelo zonke zokulwa zaseYiputa, nabaphathi-mikhosi phezu kwazo zonke ziphela.
14:8b.EXO.014.008 UYehova wayenza lukhuni ke intliziyo kaFaro ukumkani waseYiputa, wabasukela oonyana bakaSirayeli, baye oonyana bakaSirayeli bephume ngesandla esiphakamileyo.
14:9b.EXO.014.009 AmaYiputa abasukela, enamahashe onke eenqwelo zokulwa kaFaro, nakhwelwayo akhe, nempi yakhe, afika kubo bemise iintente ngaselwandle, ngasePi-hahiroti phambi kweBhahali-tsefon.
14:10b.EXO.014.010 Wasondela uFaro. Bawaphakamisa amehlo abo oonyana bakaSirayeli, nango amaYiputa efake emva kwabo. Boyika kunene, bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova.
14:11b.EXO.014.011 Bathi kuMoses, kungokuba bekungekho mangcwaba na eYiputa, le nto usithabathileyo ukuba sifele entlango apha? Yini na ukuba usenze into enje, usikhuphe eYiputa?
14:12b.EXO.014.012 Asililo na eli ilizwi ebesilithetha kuwe eYiputa, sisithi, Siyeke, siwakhonze amaYiputa? Kuba kube kusilungele kanye ukuba sikhonze amaYiputa, kunokuba sifele entlango apha.
14:13b.EXO.014.013 Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; misani, nilubone usindiso lukaYehova aya kunenzela lona namhla; kuba amaYiputa lawo niwabonileyo namhlanje, anisayi kuphinda niwabone naphakade.
14:14b.EXO.014.014 UYehova uya kunilwela, ke nina niya kuthi cwaka.
14:15b.EXO.014.015 Wathi uYehova kuMoses, Yini na ukuba ukhale kum? Thetha koonyana bakaSirayeli, banduluke.
14:16b.EXO.014.016 Ke wena, phakamisa intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kolwandle, ulwahlule, bahambe oonyana bakaSirayeli phakathi kolwandle, emhlabeni owomileyo.
14:17b.EXO.014.017 Mna ke, yabona, ndiya kuzenza lukhuni iintliziyo zamaYiputa, angene emva kwabo, ndizukiseke ngoFaro, nangempi yakhe yonke, ngeenqwelo zakhe zokulwa, nangabamahashe bakhe;
14:18b.EXO.014.018 azi amaYiputa ukuba ndinguYehova, ekuzukisekeni kwam ngoFaro nangeenqwelo zakhe zokulwa nangabamahashe bakhe.
14:19b.EXO.014.019 Sesuka isithunywa sikaThixo, esibe sihamba phambi kwemfuduka yamaSirayeli, sahamba emva kwayo. Wesuka umqulu welifu phambi kwayo, wema emva kwayo;
14:20b.EXO.014.020 wathi zinzi phakathi kwempi yamaYiputa, nemfuduka yamaSirayeli. Kwabakho ilifu nobumnyama kumaYiputa, labukhanyisela ubusuku kumaSirayeli; akasondelana ubusuku bonke.
14:21b.EXO.014.021 UMoses wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, walumkisa uYehova ulwandle ngomoya wasempumalanga onamandla, bonke obo busuku, walwenza umhlaba owomileyo ulwandle, ahlulelana amanzi.
14:22b.EXO.014.022 Bangena oonyana bakaSirayeli elwandle phakathi, kowomileyo; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo.
14:23b.EXO.014.023 Asukela amaYiputa, angena emva kwabo elwandle phakathi, enamahashe onke kaFaro, neenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.
14:24b.EXO.014.024 Kwathi ngomlindo wokusa, uYehova waqondela empini yamaYiputa esemqulwini womlilo nelifu; wayidubaduba impi yamaYiputa.
14:25b.EXO.014.025 Wayidonyula imilenze yeenqwelo zawo zokulwa, aziqhuba nzima. Athi amaYiputa, Masisabe phambi kwamaSirayeli, kuba uYehova uyawalwela, esilwa namaYiputa.
14:26b.EXO.014.026 Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kolwandle, amanzi abuyele phezu kwamaYiputa, phezu kweenqwelo zawo zokulwa, naphezu kwabamahashe bawo.
14:27b.EXO.014.027 Wasolula uMoses isandla sakhe phezu kolwandle, ulwandle lwabuyela ebumeni balo, ukuthi qhiphu kokusa; asaba amaYiputa asinga kulo. UYehova wawavuthululela amaYiputa phakathi elwandle.
14:28b.EXO.014.028 Abuya amanzi, azigubungela iingqwelo zokulwa, nabamahashe, nempi yonke kaFaro eyayingene emva kwawo elwandle; akwasala noko amnye kuwo.
14:29b.EXO.014.029 Bona oonyana bakaSirayeli bahamba emhlabeni owomileyo phakathi elwandle; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo.
14:30b.EXO.014.030 Wawasindisa uYehova ngaloo mini amaSirayeli esandleni samaYiputa; amaSirayeli awabona amaYiputa efile elunxwemeni lolwandle.
14:31b.EXO.014.031 Asibona amaSirayeli isandla esikhulu asibonakalalisileyo uYehova kumaYiputa. Bamoyika, abantu uYehova, bakholwa nguYehova, nanguMoses umkhonzi wakhe.
15
15:1b.EXO.015.001 Waza uMoses wahlabela le ngoma kuYehova, enoonyana bakaSirayeli, batsho ukuthi: Ndiya kuhlabela kuYehova, kuba enobungangamsha obukhulu, Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.
15:2b.EXO.015.002 Uqhayiya lam, ungoma yam nguYehova; Waba lusindiso kum. UloThixo wam endimzukisayo, UThixo kabawo endimphakamisayo.
15:3b.EXO.015.003 UYehova yindoda elwayo, UYehova ligama lakhe.
15:4b.EXO.015.004 Iinqwelo zokulwa zikaFaro nempi yakhe waziphosa elwandle; Abahleliweyo kubaphathi-mikhosi bakhe batshoniswe eLwandle oluBomvu.
15:5b.EXO.015.005 Amanzi enzonzobila abagubungele. Behlela ezinzulwini njengelitye.
15:6b.EXO.015.006 Isandla sakho sokunene, Yehova, sivethe amandla; Isandla sakho sokunene, Yehova, sivikiva utshaba.
15:7b.EXO.015.007 Ngobukhulu bobungangamsha bakho ubagungxule abachasi bakho; Ukhupha ukuvutha kwakho, kubadle bona njengeendiza.
15:8b.EXO.015.008 Ngokufutha kwamathatha akho afunjwa amanzi, Yema njengemfumba imiqukuqela. Ajiya amanzi enzonzobila embilinini yolwandle.
15:9b.EXO.015.009 Lwathi utshaba, Ndiyasukela, ndiyafumana, Ndaba ixhoba, umxhelo wam uyazanelisa kubo; Ndirhola ikrele lam, siya kubagqogqa isandla sam.
15:10b.EXO.015.010 Wafutha ngomoya wakho, lwabagubungela ulwandle; Bazulumbeka njengelothe emanzini angangamsha.
15:11b.EXO.015.011 Ngubani na onjengawe phakathi koothixo, Yehova? Ngubani na onjengawe, wena uvethe ubungcwele, Woyikekayo ezindumisweni, wenzayo ngokubalulekileyo?
15:12b.EXO.015.012 Wolula isandla sakho sokunene, Umhlaba uyabaginya.
15:13b.EXO.015.013 Uyabakhokela ngenceba yakho abantu aba ubahlawuleleyo, ubakhululeyo. Ngoqilima lwakho ubathundezela ekhayeni lakho elingcwele.
15:14b.EXO.015.014 Zivile izizwe, ziyangqunga, Abemi baseFilisti babanjwe kukuzibhijabhija,
15:15b.EXO.015.015 Zaza zakhwankqa izikhulu zakwaEdom; Iinjengele zakwaMowabhi zabanjwa kukuthuthumela, Batha amandla bonke abemi belakwaKanan.
15:16b.EXO.015.016 Bawelwa kukudenga nakukunkwantya, Ngenxa yobukhulu bengalo yakho bathi cwaka njengelitye, Bade badlule abantu bakho, Yehova, Bade badlule abo bantu ubazuzileyo.
15:17b.EXO.015.017 Uya kubangenisa, ubatyale entabeni yelifa lakho, Endaweni oyenzele ukuba uhlale kuyo, Yehova, Engcweleni eziyilungisileyo izandla zakho.
15:18b.EXO.015.018 UYehova uya kuba ngukumkani ngonaphakade kanaphakade.
15:19b.EXO.015.019 Kuba langena elwandle ihashe likaFaro nenqwelo yakhe yokulwa, nabamahashe bakhe. UYehova wawabuyisela phezu kwabo amanzi olwandle; ke bona oonyana bakaSirayeli bahamba kowomileyo, phakathi elwandle.
15:20b.EXO.015.020 UMiriyam umprofetikazi, udade boAron, wathabatha ingqongqo ngesandla sakhe; aphuma onke amankazana emva kwakhe, eneengqongqo engqungqa.
15:21b.EXO.015.021 Wawaphendula uMiriyam wathi, Vumani kuYehova, kuba enobungangamsha obukhulu; Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.
15:22b.EXO.015.022 UMoses wawandulula amaSirayeli, emka eLwandle oluBomvu, aphuma aya entlango yaseShure; ahamba iintsuku zantathu entlango, akafumana manzi.
15:23b.EXO.015.023 Afika eMara, akaba nakuwasela amanzi aseMara, kuba ayekrakra; ngenxa yoko igama laloo ndawo kwathiwa yiMara.
15:24b.EXO.015.024 Abantu bamkrokrela uMoses, besithi, Siya kusela ntoni na? Wadanduluka kuYehova.
15:25b.EXO.015.025 UYehova wambonisa umthi; wawuphosa emanzini, aba mnandi amanzi. Khona apho wabamisela ummiselo nesiko, khona apho wabavavanya.
15:26b.EXO.015.026 Wathi, Ukuba uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, wenza okuthe tye phambi kwakhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe: andiyi kubeka nasinye isifo phezu kwakho endisibekileyo phezu kwamaYiputa; kuba ndinguYehova, igqirha lakho.
15:27b.EXO.015.027 Bafika e-Elim, apho kwaye kukho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi osixhenxe, bazimisa iintente khona ngasemanzini.
16
16:1b.EXO.016.001 Lonke ibandla loonyana bakaSirayeli landuluka e-Elim, lafika entlango yaseSin, ephakathi kwe-Elim, neSinayi, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yesibini yokuphuma kwabo ezweni laseYiputa.
16:2b.EXO.016.002 Labakrokrela ooMoses noAron lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango apho.
16:3b.EXO.016.003 Bathi oonyana bakaSirayeli kubo, Akwaba besife sisandla sikaYehova ezweni laseYiputa, xa sasihleli ngasezimbizeni zenyama, sisidla isonka sada sahlutha; ngokuba nisikhuphele kule ntlango, ukuze nisibhubhise sonke esi sikhungu ngendlala.
16:4b.EXO.016.004 Wathi uYehova kuMoses, Uyabona, ndiya kuninisela isonka sivela ezulwini; baphume abantu, babuthe isabelo semini esilingene imini, ukuze ndibalinge ukuba bohamba ngomyalelo wam, abayi kuhamba ngawo, kusini na.
16:5b.EXO.016.005 Kothi ngemini yesithandathu, balungise oko bakuzisileyo; koba ngumlinganiselo ophindwe kabini kunoko bathe bakubutha imihla ngemihla.
16:6b.EXO.016.006 Wathi uMoses noAron koonyana bakaSirayeli bonke, Ngokuhlwa niya kwazi ukuba nguYehova owanikhuphayo ezweni laseYiputa;
16:7b.EXO.016.007 kusasa niya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ekubeni ekuvile ukumkrokrela kwenu uYehova. Thina besingoobani na ukuba nisikrokrele?
16:8b.EXO.016.008 Wathi uMoses, Niya kububona ekuthini uYehova aninike inyama ngokuhlwa, nidle isonka kusasa, nihluthe; ekubeni uYehova ekuvile ukukrokra kwenu enimkrokrela ngako. Ke thina singoobani na? Anikrokreli thina, nikrokrela uYehova.
16:9b.EXO.016.009 Wathi uMoses kuAron, Yithi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Sondelani phambi koYehova; kuba ukuvile ukukrokra kwenu.
16:10b.EXO.016.010 Ke kaloku, xa wayethetha uAron kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, bakhangela entlango, nabo ubuqaqawuli bukaYehova bubonakala efini.
16:11b.EXO.016.011 Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
16:12b.EXO.016.012 Ndikuvile ukukrokra koonyana bakaSirayeli. Thetha nabo uthi, Lakutshona ilanga nodla inyama, kusasa nohlutha sisonka; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
16:13b.EXO.016.013 Kwathi ngokuhlwa zenyuka izagwityi, zayigubungela iminquba yonke; kusasa kwabakho umbethe olele ngeenxa zonke eminqubeni.
16:14b.EXO.016.014 Wenyuka umbethe obulele, nanko kukho phezu komhlaba entlango intwana apha ecolekileyo, ejiyileyo, encinanana njengeqabaka emhlabeni.
16:15b.EXO.016.015 Bayibona oonyana bakaSirayeli, bathi omnye komnye, Yintoni? Kuba babengazi ukuba yintoni na. Wathi uMoses kubo, Sesi sonka aninika sona uYehova, ukuba sibe kukudla.
16:16b.EXO.016.016 Le yiloo nto wawisa umthetho ngayo uYehova, wathi, Buthani yona, elowo ngangokudla kwakhe, ihomere ngentloko yomntu, ngokwenani labantu, elowo athabathele abasententeni yakhe.
16:17b.EXO.016.017 Benjenjalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane.
16:18b.EXO.016.018 Balinganisela ngehomere; akagqithisa obuthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.
16:19b.EXO.016.019 Wathi kubo uMoses, Umntu makangabeki mbeko.
16:20b.EXO.016.020 Abamphulaphulanga uMoses. Inxenye yayibeka umbeko; yabola, yaba neempethu, yanuka. UMoses waba noburhalarhume kubo.
16:21b.EXO.016.021 Bayibutha imiso ngemiso, elowo ngangokudla kwakhe; lathi lakufudumala ilanga yanyibilika.
16:22b.EXO.016.022 Kwathi ngemini yesithandathu, babutha isonka semihla emibini, iihomere ezimbini mntwini mnye. Zangena zonke izikhulu zebandla, zamxelela uMoses.
16:23b.EXO.016.023 Wathi kuzo, Yiyo loo nto ayithethileyo uYehova, Ngomso luphumlo; yisabatha engcwele kuYehova; yosani enikosayo, phekani enikuphekayo, zibekeleni yonke into eseleyo, igcinwe kude kuse.
16:24b.EXO.016.024 Bayibeka ke kwada kwasa, njengoko uMoses wabawisela umthetho; ayanuka, akwabakho mpethu kuyo.
16:25b.EXO.016.025 Wathi uMoses Yidleni namhla; kuba namhla yisabatha kuYehova; namhla aniyi kuyifumana endle.
16:26b.EXO.016.026 Noyibutha imihla emithandathu; ngomhla wesixhenxe yisabatha; ayi kubakho ngawo.
16:27b.EXO.016.027 Kuthe ngomhla wesixhenxe, kwaphuma inxenye yabantu, yaya kubutha, ayafumana nto.
16:28b.EXO.016.028 Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na, ningavumi ukuyigcina imithetho yam nemiyalelo yam?
16:29b.EXO.016.029 Niyabona ke, uYehova uninike isabatha; kungenxa yoko athe ngomhla wesithandathu waninika isonka semihla emibini. Hlalani elowo endaweni yakhe; makungaphumi mntu endaweni yakhe ngomhla wesixhenxe.
16:30b.EXO.016.030 Baye bephumla ke abantu ngomhla wesixhenxe.
16:31b.EXO.016.031 Indlu kaSirayeli yathi igama lale nto yimana. Yayinjengembewu yekoriyandire, imhlophe, isongo sayo sinjengezonkana ezinobusi.
16:32b.EXO.016.032 Wathi uMoses, Nantsi into awise umthetho ngayo uYehova: zalisani ihomere ngayo, igcinelwe izizukulwana zenu, ukuze zisibone isonka endinidlise sona entlango, ekunikhupheni ezweni laseYiputa.
16:33b.EXO.016.033 Wathi uMoses kuAron, Thabatha isitya sibe sinye, ugalele ihomere kuso sizale yimana, uyibeke phambi koYehova, igcinelwe izizukulwana zenu;
16:34b.EXO.016.034 igcinwe njengoko uYehova wamwisela uMoses umthetho ngako. Wayibeka uAron phambi kwesingqino, ukuba igcinwe.
16:35b.EXO.016.035 Bayidla oonyana bakaSirayeli imana iminyaka emashumi mane, bada bafika ezweni elimiweyo; bayidla imana bada bafika emdeni welizwe lakwaKanan
16:36b.EXO.016.036 Ke ihomere isisahlulo seshumi se-efa.
17
17:1b.EXO.017.001 Landuluka lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango yaseSin ngokweehambo zabo, ngelizwi likaYehova; bazimisa iintente eRefidim. Akwabakho manzi okuselwa ngabantu.
17:2b.EXO.017.002 Babambana abantu noMoses, bathi, Sinike amanzi, sisele. Wathi uMoses kubo, Yini na ukuba nibambane nam? Yini na ukuba nimlinge uYehova?
17:3b.EXO.017.003 Banxanelwa amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Yini na ukuba usinyuse siphume eYiputa, nosapho lwethu, nemfuyo yethu, uze kusibhubhisa ngenxano?
17:4b.EXO.017.004 UMoses wadanduluka kuYehova, esithi, Ndiya kubathini na aba bantu? Sekukancinane ukuba bandixulube ngamatye.
17:5b.EXO.017.005 Wathi uYehova kuMoses, Gqithela phambi kwabantu, uthabathe amadoda amakhulu akwaSirayeli abe nawe; uthi nentonga yakho, owawubetha ngayo umlambo, uyiphathe esandleni sakho, uhambe.
17:6b.EXO.017.006 Yabona, ndiya kuma phambi kwakho khona, phezu kweliwa eHorebhe; uze ulibethe iliwa; kophuma amanzi kulo, basele abantu. Wenjenjalo ke uMoses phambi kwawo amadoda amakhulu akwaSirayeli.
17:7b.EXO.017.007 Wathi igama laloo ndawo yiMasa neMeribha, ngenxa yokubambana koonyana bakaSirayeli, nangenxa yokumlinga kwabo uYehova, besithi, UYehova ukho na phakathi kwethu, akakho, kusini na?
17:8b.EXO.017.008 UAmaleki weza, walwa noSirayeli eRefidim.
17:9b.EXO.017.009 Wathi uMoses kuYoshuwa, Sihlelele amadoda; uze wena uphume ulwe noAmaleki; mna ngomso ndiya kuma encotsheni yenduli, intonga kaThixo isesandleni sam. Wenza uYoshuwa njengoko wathethayo uMoses kuye, walwa noAmaleki;
17:10b.EXO.017.010 bona ooMoses na-Aron noHure benyuka baya encotsheni yenduli.
17:11b.EXO.017.011 Kwathi, xa aziphakamisileyo uMoses izandla, kweyisa uSirayeli; kwathi xa azihlisileyo izandla, kweyisa uAmaleki.
17:12b.EXO.017.012 Izandla zikaMoses zadinwa. Bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala kulo; bathi ooAron noHure bazixhasa izandla zakhe, omnye engapha, nomnye engaphaya. Zazimaseka izandla zakhe, lada ilanga latshona.
17:13b.EXO.017.013 UYoshuwa wamchitha uAmaleki nabantu bakowabo ngohlangothi lwekrele.
17:14b.EXO.017.014 Wathi uYehova kuMoses, Kubhale oku kube sisikhumbuzo encwadini, ukuthethe ezindlebeni zikaYoshuwa; ngokuba ndiya kusicima impela isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwamazulu.
17:15b.EXO.017.015 UMoses wakha isibingelelo, wathi igama laso nguYehova-ibhanile-yam.
17:16b.EXO.017.016 Wathi, Isandla siphakanyiselwe etroneni kaYehova, ukuba uYehova uya kulwa imfazwe noAmaleki isizukulwana ngesizukulwana.
18
18:1b.EXO.018.001 UYitro, umbingeleli wakwaMidiyan, uyise womkaMoses, wayiva yonke into uThixo abeyenzele uMoses, namaSirayeli abantu bakhe, ukuba uYehova uwakhuphile amaSirayeli eYiputa.
18:2b.EXO.018.002 UYitro, uyise womkaMoses, wamthabatha uTsipora, umkaMoses, emveni kokuba ebemndulule,
18:3b.EXO.018.003 noonyana bakhe bobabini; igama lomnye lalinguGershom, kuba wathi, Bendingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga; igama lomnye lalinguEliyezere,
18:4b.EXO.018.004 kuba wathi, UThixo kabawo ubengumncedi wam, wandihlangula ekreleni likaFaro.
18:5b.EXO.018.005 UYitro, uyise womkaMoses, weza ke noonyana bakhe nomkakhe, kuMoses entlango, apho wayemise khona intente, entabeni kaThixo.
18:6b.EXO.018.006 Wathi kuMoses, Mna Yitro, unguyihlo, ndize kuwe, ndinomkakho enoonyana bakhe bobabini.
18:7b.EXO.018.007 Waphuma uMoses, waya kumkhawulela uyise womkakhe, waqubuda, wamanga; babuzana impilo, bangena ententeni.
18:8b.EXO.018.008 UMoses wambalisela uyise womkakhe yonke into uYehova abeyenzile kuFaro nakumaYiputa ngenxa kaSirayeli; nenkxamleko yonke abayifumanayo endleleni, nokuhlangulwa kwabo nguYehova.
18:9b.EXO.018.009 Wavuya uYitro akukuva konke ukulunga abekwenzile uYehova kuSirayeli, ngokumhlangula esandleni samaYiputa.
18:10b.EXO.018.010 Wathi uYitro, Makabongwe uYehova owanihlangulayo esandleni samaYiputa, nasesandleni sikaDaro; owabahlangulayo abantu, baphuma phantsi kwesandla samaYiputa.
18:11b.EXO.018.011 Ngoku ndiyazi ukuba uYehova mkhulu koothixo bonke; ewe, kwakuloo nto amaYiputa abewakhukhumalele ngayo amaSirayeli.
18:12b.EXO.018.012 UYitro, uyise womkaMoses, wamthabathela uThixo idini elinyukayo nemibingelelo; weza uAron namadoda amakhulu onke akwaSirayeli, esiza kudla isonka noyise womkaMoses phambi koThixo.
18:13b.EXO.018.013 Kwathi ngengomso, uMoses wahlala wathetha amatyala abantu; abantu baxhontela kuMoses, kususela kusasa kwada kwangokuhlwa.
18:14b.EXO.018.014 Wayibona uyise womkaMoses yonke into abeyenza ebantwini, wathi, Iyintoni na le nto uyenzayo ebantwini? Kungani na, le nto uhlala wedwa, bathi bona bonke abantu baxhontele kuwe, kususela kusasa kude kuhlwe?
18:15b.EXO.018.015 Wathi uMoses kuyise womkakhe, Kungokuba abantu besiza kum ukuba ndibacelele icebo kuThixo;
18:16b.EXO.018.016 xa banendawo, beza kum ukuba ndigwebe phakathi komntu nommelwane wakhe, ndibazise imimiselo kaThixo nemiyalelo yakhe.
18:17b.EXO.018.017 Wathi uyise womkaMoses kuye,
18:18b.EXO.018.018 Ayilungile le nto uyenzayo. Uya kuzigqiba uphele amandla, naba bantu unabo; kuba lo msebenzi unzima kuwe, akunakuwenza wedwa.
18:19b.EXO.018.019 Phulaphula ngoko izwi lam, ndikuphe iqhinga; uThixo woba nawe. Wena yiba ngumlomo wabantu kuThixo, uzise izinto zabo kuThixo;
18:20b.EXO.018.020 ubafundise imimiselo nemiyalelo, ubazise indlela abaya kuhamba ngayo, nomsebenzi abaya kuwenza.
18:21b.EXO.018.021 Uze uzikhangelele ebantwini bonke amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala, amoyikayo uThixo, amadoda anyanisileyo, ayithiyileyo inzuzo embi, uwamise phezu kwabo, abe ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye;
18:22b.EXO.018.022 bathethe amatyala abantu ngamaxesha onke; zithi izinto zonke ezinkulu bazizise kuwe; zonke ezincinane bazigwebe bona, ukuze kube lula kuwe, bakuthwalise.
18:23b.EXO.018.023 Ukuba uthe wayenza loo nto, waza wakuwisela umthetho uThixo, woba nako ukuma, bathi naba bantu bonke bafike endaweni yabo benoxolo.
18:24b.EXO.018.024 UMoses waliphulaphula izwi loyise womkakhe, wayenza into yonke abeyithethile.
18:25b.EXO.018.025 UMoses wanyula amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala kuwo onke amaSirayeli, wawenza iintloko phezu kwabantu, aba ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye.
18:26b.EXO.018.026 Bathetha amatyala abantu ngamaxesha onke; izinto ezinqabileyo bazizisa kuMoses, zonke ezincinane bazigweba bona.
18:27b.EXO.018.027 UMoses wamndulula uyise womkakhe, waya elizweni lakowabo.
19
19:1b.EXO.019.001 Ngenyanga yesithathu emveni kokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, ngayo loo mini, bafika entlango yaseSinayi.
19:2b.EXO.019.002 Banduluka eRefidim, bafika entlango yaseSinayi, balalisa entlango; amisa iintente apho amaSirayeli malunga nentaba.
19:3b.EXO.019.003 UMoses wenyuka waya kuThixo, uYehova wadanduluka kuye esentabeni apho, wathi, Yitsho kwindlu kaYakobi, uxelele oonyana bakaSirayeli ukuthi,
19:4b.EXO.019.004 Nina niyibonile into endiyenzileyo kumaYiputa, ukuba ndanithwala ngamaphiko okhozi, ndanizisa kum.
19:5b.EXO.019.005 Ngoku ke, ukuba nithe naliphulaphula okunene izwi lam, nawugcina umnqophiso wam, noba yinqobo kum kwizizwe zonke, kuba ihlabathi lonke lelam;
19:6b.EXO.019.006 nibe bubukumkani bababingeleli kum, nohlanga olungcwele. Ngawo lawo amazwi oya kuwathetha koonyana bakaSirayeli.
19:7b.EXO.019.007 Weza uMoses, wawabiza amadoda amakhulu abantu, wabeka phambi kwawo onke amazwi uYehova awamwisela umthetho ngawo.
19:8b.EXO.019.008 Baphendula bonke abantu ngamxhelo mnye, bathi, Konke akuthethileyo uYehova sokwenza. UMoses wayixelela uYehova intetho yabantu.
19:9b.EXO.019.009 Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ndiyeza kuwe ndiselifini elingqingqwa, ukuze beve abantu ekuthetheni kwam nawe, bakholwe kuwe ngonaphakade. Wawaxela ke uMoses amazwi abantu kuYehova.
19:10b.EXO.019.010 Wathi uYehova kuMoses, Yiya ebantwini, ubangcwalise namhla nangomso, bazihlambe iingubo zabo, balunge ngomhla wesithathu;
19:11b.EXO.019.011 kuba ngomhla wesithathu uya kuhla uYehova phezu kwentaba yeSinayi, emehlweni abantu bonke;
19:12b.EXO.019.012 ubamisele abantu imida ngeenxa zonke, uthi kubo, Zigcineni ningenyukeli entabeni, ningawachukumisi amazantsi ayo; osukuba eyichukumisa intaba wobulawa afe.
19:13b.EXO.019.013 Makungafiki sandla kuye; makaxulutywe ngamatye mpela, athi mhlawumbi atolwe nokutolwa; nokuba yinto ezizitho zine, nokuba ngumntu, akayi kuphila. Sakolula isandi sesigodlo ukuhlokoma, banganyuka entabeni bona.
19:14b.EXO.019.014 Wehla uMoses entabeni, waya ebantwini, wabangcwalisa abantu; bazihlamba iingubo zabo.
19:15b.EXO.019.015 Wathi ebantwini, Ize nizilungiselele umhla wesithathu, ningasondeli ebafazini.
19:16b.EXO.019.016 Kwathi ngomhla wesithathu, kwakusa, kwabakho iindudumo, nemibane, nelifu elinzima phezu kwentaba, nesandi sesigodlo esomeleleyo kunene; bagubha bonke abantu abaseminqubeni.
19:17b.EXO.019.017 UMoses wabakhupha abantu eminqubeni, baya kumkhawulela uThixo; bema emazantsi entaba.
19:18b.EXO.019.018 Intaba yeSinayi yaba ngumsi yonke iphela, kuba uYehova wehla phezu kwayo esemlilweni. Umsi wayo wenyuka njengomsi weziko lemfutho; yanyikima kunene yonke intaba.
19:19b.EXO.019.019 Kwabakho isandi sesigodlo esaya sisomelela kakhulu; wathetha uMoses, uThixo wamphendula ngesandi.
19:20b.EXO.019.020 Wehla ke uYehova phezu kwentaba yeSinayi, encotsheni yentaba; uYehova wambizela uMoses encotsheni yentaba leyo; wenyuka ke uMoses.
19:21b.EXO.019.021 Wathi uYehova kuMoses, Yihla, ubaqononondise abantu, hleze batyhobozele kuYehova, bakhangele, kwenzakale into eninzi kubo.
19:22b.EXO.019.022 Kananjalo ababingeleleli abasondelayo kuYehova, mabazingcwalise, hleze uYehova ababhubhise.
19:23b.EXO.019.023 Wathi uMoses kuYehova, Abantu abanakunyuka, baye entabeni yeSinayi; kuba wena wasiqononondisa wathi, Yimisele imida intaba, uyingcwalise.
19:24b.EXO.019.024 Wathi uYehova kuye, Hamba uhle, uze unyuke wena ninoAron; ke ababingeleli nabantu mabangatyhobozi benyuke beze kuYehova, hleze ababhubhise.
19:25b.EXO.019.025 Wehla ke uMoses, waya ebantwini, watsho kubo.
20
20:1b.EXO.020.001 UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi:
20:2b.EXO.020.002 NdinguYehova, uThixo wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
20:3b.EXO.020.003 Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
20:4b.EXO.020.004 Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.
20:5b.EXO.020.005 Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;
20:6b.EXO.020.006 ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
20:7b.EXO.020.007 Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe.
20:8b.EXO.020.008 Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise.
20:9b.EXO.020.009 Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;
20:10b.EXO.020.010 ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho:
20:11b.EXO.020.011 kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.
20:12b.EXO.020.012 Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
20:13b.EXO.020.013 Uze ungabulali.
20:14b.EXO.020.014 Uze ungakrexezi.
20:15b.EXO.020.015 Uze ungebi.
20:16b.EXO.020.016 Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.
20:17b.EXO.020.017 Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.
20:18b.EXO.020.018 Bonke abantu bazibona iindudumo nemibane, nesandi sesigodlo, nentaba ingumsi. Abantu babona ke bangcangacazela, bamela kude.
20:19b.EXO.020.019 Bathi kuMoses, Thetha wena nathi, siya kuva; makangathethi nathi uThixo, hleze sife.
20:20b.EXO.020.020 Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; kuba uThixo uze kunilinga, ukuba kubekho ukumoyika ebusweni benu, ukuze ningoni.
20:21b.EXO.020.021 Abantu bamela kude; wasondela uMoses esithokothokweni abekuso uThixo.
20:22b.EXO.020.022 Wathi uYehova kuMoses, Wotsho koonyana bakaSirayeli, ukuthi, Nibonile nina, ukuba ndithethe nani ndisemazulwini.
20:23b.EXO.020.023 Ize ningenzi oothixo bokunxulumana nam, ningazenzeli oothixo besilivere, noothixo begolide.
20:24b.EXO.020.024 Uze undenzele isibingelelo somhlaba, ubingelele phezu kwaso amadini akho anyukayo, nemibingelelo yakho yoxolo, impahla yakho emfutshane neenkomo zakho. Ndoza kuwe ndikusikelele ezindaweni zonke endomisa kuzo isikhumbuzo segama lam.
20:25b.EXO.020.025 Ke ukuba uthe wandenzela isibingelelo samatye, uze ungasakhi ngamatye aqingqiweyo; okanye ukuba uthe wayiphakamisa intlabo yakho phezu kwaso, woba usihlambele.
20:26b.EXO.020.026 Uze ungenyuki ngezinyuko esibingelelweni sam, ukuze bungatyhileki ubuze bakho kuso.
21
21:1b.EXO.021.001 Ngawo la amasiko oya kuwabeka phambi kwabo:
21:2b.EXO.021.002 Xa uthe wazuza ikhoboka elingumHebhere, lokhonza iminyaka ibe mithandathu; lithi kowesixhenxe liphume likhululekile, lingahlawulelwanga.
21:3b.EXO.021.003 Ukuba lithe leza lodwa, lophuma lodwa; ukuba belithe leza liyindoda enomfazi, umkalo wophuma nalo.
21:4b.EXO.021.004 Ukuba ke inkosi yalo ithe yalizekela umfazi, walizalela oonyana, nokuba ziintombi: umfazi lowo nabantwana balo boba ngabenkosi yalo, liphume lona lodwa.
21:5b.EXO.021.005 Ukuba lithe eli khoboka, Ndiyayithanda inkosi yam, nomkam, nabantwana bam, andiyi kuphuma ndikhululekile:
21:6b.EXO.021.006 inkosi yalo leyo yolisondeza kuThixo, ilisondeze elucangweni, nokuba kusemgubasini, ilithumbuse indlebe ngenyatyhowa inkosi yalo, liyikhonze ngonaphakade.
21:7b.EXO.021.007 Xa ke umntu athe wathengisa ngentombi yakhe, yaba likhobokazana, mayingaphumi ngokokuphuma kwamakhoboka lawo.
21:8b.EXO.021.008 Ke ukuba ithe ayayikholisa inkosi yayo, ebizimisele yona, yoyivumela ukuba ikhululwe ngentlawulelo; ke ayiyi kuba nagunya lakuthengisa ngayo kubantu bolunye uhlanga, ukuba iyitshinizele.
21:9b.EXO.021.009 Ukuba ithe yayimisela unyana wayo, yothi iyenze ngokwesiko leentombi zonke.
21:10b.EXO.021.010 Ukuba ithe yamzekela omnye umfazi, mayingakunciphisi ukudla kwayo, nezambatho zayo, nokubalelwa kwayo.
21:11b.EXO.021.011 Ukuba ayithanga izenze ezo zinto zontathu, mayiphume ingahlawulelwanga mali.
21:12b.EXO.021.012 Othe wabetha umntu wafa, naye wobulawa afe.
21:13b.EXO.021.013 Ke lowo ubengenanzondo, yanguThixo omqubisanise nesandla sakhe, ndokumisela indawo aya kusabela kuyo.
21:14b.EXO.021.014 Xa ke umntu athe wagabadela ngakummelwane wakhe, wambulala ngobuqhophololo: uze umsuse nasesibingelelweni sam, afe.
21:15b.EXO.021.015 Othe wabetha uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.
21:16b.EXO.021.016 Othe weba umntu, nokuba uthengise ngaye, nokuba ufunyenwe esandleni sakhe, wobulawa afe.
21:17b.EXO.021.017 Othe watshabhisa uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.
21:18b.EXO.021.018 Xa athe abambana amadoda, yaza enye yambetha ummelwane wakhe ngelitye, nokuba kungengqindi, akafa, wesuka walala ngendlu:
21:19b.EXO.021.019 ukuba uthe wavuka, wahamba phandle esimelela: mayingabi natyala leyo yambethayo, kodwa yomnika indleko yexesha lakhe, imphilise aphile.
21:20b.EXO.021.020 Xa athe umntu wabetha isicaka sakhe, nokuba sisicakakazi sakhe ngentonga, safa ngesandla sakhe: sophindezelwa ngenene.
21:21b.EXO.021.021 Kodwa ukuba sithe sahlala, asafa, usuku nokuba ziintsuku: makungaphindezelwa; kuba siyimali yakhe.
21:22b.EXO.021.022 Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwenzakala nto noko: makahlawuliswe ngenene umfo lowo, njengoko iya kubeka phezu kwakhe indoda yaloo mfazi, arhole ngokwelizwi labahluli.
21:23b.EXO.021.023 Ukuba uthe wenzakala, uze urhole umphefumlo ngomphefumlo,
21:24b.EXO.021.024 iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,
21:25b.EXO.021.025 ukutshiswa ngokutshiswa, inxeba ngenxeba, umvumbo ngomvumbo.
21:26b.EXO.021.026 Xa athe umntu wasibetha esweni isicaka sakhe, nokuba uthe wasibetha esweni isicakakazi sakhe, latyhaphaka: makasindulule sikhululekile ngenxa yeliso laso.
21:27b.EXO.021.027 Ukuba uthe wakhumla izinyo lesicaka sakhe, nokuba lelesicakakazi sakhe: makasindulule sikhululekile ngenxa yezinyo laso.
21:28b.EXO.021.028 Ke xa inkomo ithe yahlaba indoda, nokuba yinkazana, yafa: loo nkomo mayigityiselwe ngamatye, ingadliwa inyama yayo; umnininkomo woba msulwa.
21:29b.EXO.021.029 Ke ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, waza waziswa umniniyo, akayigcina noko, yaza yabulala indoda, nokuba yinkazana: mayigityiselwe ngamatye inkomo leyo, kananjalo nomniniyo makabulawe.
21:30b.EXO.021.030 Ukuba uthe wamiselwa intlawulo yokuzicamagushela, makayirhole akhulule umphefumlo wakhe, ngako konke akumiselweyo.
21:31b.EXO.021.031 Nokuba ihlabe unyana, nokuba ihlabe intombi, makwenziwe kuye ngelo siko.
21:32b.EXO.021.032 Ukuba inkomo yakhe ithe yahlaba isicaka, nokuba sisicakakazi, makarholele inkosi yaso iishekele zesilivere ezimashumi mathathu, inkomo yona igityiselwe ngamatye.
21:33b.EXO.021.033 Xa umntu athe wavula umhadi, naxa umntu athe wemba umhadi, akawuvingca, kweyela inkomo, nokuba liesile, kuwo:
21:34b.EXO.021.034 umninimhadi woyimisela, ambuyisele umniniyo ngemali, leyo ifileyo ibe yeyakhe.
21:35b.EXO.021.035 Xa ithe inkomo yomntu yahlaba inkomo yommelwane wakhe, yafa, mabathengise ngenkomo leyo iphilileyo, bayahlule imali yayo; kananjalo mabayahlule leyo ifileyo.
21:36b.EXO.021.036 Ukuba kwakusazeka ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, akayigcina umniniyo: makayimisele inkomo ngenkomo, leyo ifileyo ibe yeyakhe.
22
22:1b.EXO.022.001 Xa umntu athe weba inkomo, nokuba yigusha, wayixhela, mhlawumbi wathengisa ngayo: makadliwe iinkomo zibe ntlanu ngenkomo leyo, izimvu zibe ne ngemvu leyo.
22:2b.EXO.022.002 Ukuba isela lithe lafunyanwa ligqobha indlu, labethwa lafa, akukho tyala lagazi kulowo.
22:3b.EXO.022.003 Ukuba liphunyelwe lilanga, lobakho ityala legazi kulowo. Loo nto maliyimisele ngokuzeleyo; ukuba alinanto, makuthengiswe ngalo ngenxa yobusela balo.
22:4b.EXO.022.004 Ukuba ithe yafunyanwa isesandleni salo, okanye iphilile, loo nto ibiweyo, nokuba yinkomo, nokuba liesile, nokuba yigusha, maliyibuyise nganto mbini.
22:5b.EXO.022.005 Xa umntu athe wadlisa intsimi, nokuba sisidiliya, wavulela iinkomo zakhe, zayidla intsimi yomnye: makamisele ngeyona nto intle yentsimi yakhe, nangeyona nto intle yesidiliya sakhe.
22:6b.EXO.022.006 Xa kuthe kwatsha umlilo, wafumanana neentango, watshisa izitha zengqolowa, nokuba yemiyo, nokuba yintsimi: lowo uwutshisileyo makazimisele ezo zinto.
22:7b.EXO.022.007 Xa athe umntu wanikela ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu: ukuba lithe lafunyanwa isela elo, maliyibuyekeze kabini.
22:8b.EXO.022.008 Ukuba lithe alafunyanwa isela: umninindlu makasondezwe kuThixo, afunge ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe lowo.
22:9b.EXO.022.009 Ngenxa yezinto zonke zokona, ngenxa yenkomo, ye-esile, yegusha, yengubo, nangenxa yezinto zonke ezidakileyo, ezifaniswayo: loo ndawo yabo bobabini yoya phambi koThixo; othe wagwetywa nguThixo, wombuyekeza kabini ummelwane wakhe.
22:10b.EXO.022.010 Xa athe umntu wanika ummelwane wakhe iesile, nokuba yinkomo, nokuba yigusha, nokuba yiyiphi into ezitho zine, ukuba ayigcine; yaza yafa, mhlawumbi yaphuka, mhlawumbi yathinjwa, kungaboni bani:
22:11b.EXO.022.011 makubekho ukufunga uYehova phakathi kwabo bobabini, ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe; makamkele oko umniniyo, loo mntu angayimiseli.
22:12b.EXO.022.012 Ukuba ibiwe yabiwa ikuye, woyimisela kumniniyo.
22:13b.EXO.022.013 Ukuba iqwengiwe, woyizisa ibe lingqina; makangayimiseli into eqwengiweyo.
22:14b.EXO.022.014 Xa athe umntu waboleka inkomo kummelwane wakhe, yaza yaphuka, mhlawumbi yafa, engekho umniniyo, makayimisele.
22:15b.EXO.022.015 Ukuba ithe yenzakala ekho umniniyo, makangayimiseli; ukuba ibithe yaqeshwa, ibe ihambele ingqesho yayo.
22:16b.EXO.022.016 Xa athe umntu warhwebesha intombi engaganiweyo, walala nayo, woyilobola ibe ngumkakhe.
22:17b.EXO.022.017 Ukuba uyise wayo walile kanye ukumnika, makarhole imali njengekhazi lazo iintombi.
22:18b.EXO.022.018 Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi.
22:19b.EXO.022.019 Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.
22:20b.EXO.022.020 Obingelela kuthixo ongenguye uYehova yedwa, makasingelwe phantsi.
22:21b.EXO.022.021 Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
22:22b.EXO.022.022 Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli.
22:23b.EXO.022.023 Ukuba uthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo;
22:24b.EXO.022.024 uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlolokazi abafazi benu, babe ziinkedama abantwana benu.
22:25b.EXO.022.025 Ukuba uthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali: uze ungababizi nzala.
22:26b.EXO.022.026 Ukuba ummelwane wakho ubambise ngengubo yakhe kuwe, woyibuyisela kuye lingekatshoni ilanga;
22:27b.EXO.022.027 kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso, yingubo yakhe yomzimba wakhe; wolala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive; kuba ndinenceba.
22:28b.EXO.022.028 UThixo uze ungamtshabhisi, nesikhulu ebantwini bakowenu uze ungasiqalekisi.
22:29b.EXO.022.029 Indyebo yakho nencindi yemithi yakho, uze ungalibali ukundinika. Oonyana bakho bamazibulo uze undinike.
22:30b.EXO.022.030 Uze wenjenjalo ngenkomo yakho, nangempahla yakho emfutshane: mayibe kunina iintsuku ezisixhenxe, uthi ngosuku lwesibhozo undinike.
22:31b.EXO.022.031 Noba ngabantu abangcwele kum; inyama yento eqwengiweyo endle nize ningayidli; noyiphosa ezinjeni.
23
23:1b.EXO.023.001 Uze ungathuthi ludaba lukhohlakeleyo: uze ungancedisani nongendawo, ukuba ube lingqina logonyamelo.
23:2b.EXO.023.002 Uze ungalandeli isininzi ukuya kwenza izinto ezimbi; ungathi ukungqina kwimbambano ekhoyo, ujike ulandele isininzi, uyijike inyaniso.
23:3b.EXO.023.003 Uze ungasicengi isisweli ekubambaneni kwaso nomnye.
23:4b.EXO.023.004 Xa uthe waqubisana nenkomo yotshaba lwakho, nokuba liesile lalo, lilahleka: wolibuyisela kulo.
23:5b.EXO.023.005 Xa uthe walibona iesile lokuthiyileyo lisadalele phantsi komthwalo walo, musa ukumyekela; likhulule umkhululise.
23:6b.EXO.023.006 Uze ungasijiki isigwebo sehlwempu lakho ekubambaneni kwalo nomnye.
23:7b.EXO.023.007 Zikhwelelise kude entweni ebubuxoki; musa ukumbulala omsulwa nolilungisa: kuba andiyi kumgwebela ongendawo.
23:8b.EXO.023.008 Uze ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi siyabamfamekisa ababonayo, siphenula imicimbi yamalungisa.
23:9b.EXO.023.009 Uze ungamxini umphambukeli; niyawazi nina umphefumlo womphambukeli, kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
23:10b.EXO.023.010 Wowuhlwayela umhlaba wakho iminyaka emithandathu, ubuthe iziqhamo zawo;
23:11b.EXO.023.011 ke ngowesixhenxe wowuyeka ulale, adle amahlwempu abantu bakowenu, okuseleyo kuwo kudliwe ziinyamakazi; wenjenjalo ngesidiliya sakho, nangesinquma sakho.
23:12b.EXO.023.012 Wowusebenza umsebenzi wakho imihla emithandathu, uphumle ngomhla wesixhenxe; iphumle inkomo yakho ne-esile lakho, akhe aphefumle unyana wesicakakazi sakho nomphambukeli.
23:13b.EXO.023.013 Zonke izinto endizithethileyo kuni, zigcineni; igama lathixo bambi uze ungalikhankanyi, lingaviwa emlonyeni wakho.
23:14b.EXO.023.014 Wondenzela umthendeleko kathathu ngomnyaka.
23:15b.EXO.023.015 Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine, udle izonka ezingenagwele imihla esixhenxe, njengoko ndakuwiselayo umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma ngayo eYiputa; makungabonakali bani phambi kwam engaphethe lutho;
23:16b.EXO.023.016 nomthendeleko wexa lokuvuna, wentlahlela yemisebenzi yakho yokuhlwayela entsimini; nomthendeleko wokuhlanganisa, osekupheleni komnyaka, ekuhlanganiseni kwakho imisebenzi yakho entsimini.
23:17b.EXO.023.017 Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, mayibonakale yonke into eyindoda yakowenu phambi kweNkosi uYehova.
23:18b.EXO.023.018 Uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele igazi lombingelelo wam; nenqatha lomthendeleko wam malingabi ngumbeko.
23:19b.EXO.023.019 Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyizise endlwini kaYehova uThixo wakho. Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.
23:20b.EXO.023.020 Uyabona, ndithuma isithunywa phambi kwakho, ukuba sikugcine endleleni, sikufikise endaweni endiyilungisileyo.
23:21b.EXO.023.021 Silumkele, uliphulaphule izwi laso. Musa ukusiphikisa; kuba asiyi kuluxolela ukreqo lwenu; kuba igama lam likuso.
23:22b.EXO.023.022 Ke ukuba uthe waliva ilizwi laso, wenza konke endikuthethayo, ndoba lutshaba kwiintshaba zakho, ndibabandezele ababandezeli bakho.
23:23b.EXO.023.023 Kuba isithunywa sam sohamba phambi kwakho, sikufikise kuma-Amori, namaHiti, namaPerizi, namaKanan, namaHivi, namaYebhusi; ndiwabethe athi shwaka.
23:24b.EXO.023.024 Uze ungabanquli oothixo babo, ungabakhonzi, ungenzi ngokwemisebenzi yabo; uze uzigungxule, uziqhekeze nokuziqhekeza izimiso zabo zamatye.
23:25b.EXO.023.025 Nize nikhonze uYehova uThixo wenu, asisikelele isonka sakho, namanzi akho; ndisisuse isifo phakathi kwakho.
23:26b.EXO.023.026 Akuyi kubakho kuphunza nakudlola ezweni lakho; inani lemihla yakho ndolizalisa.
23:27b.EXO.023.027 Ndiya kuzithuma phambi kwakho izothuso zam, ndibadubadube bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele ikhosi;
23:28b.EXO.023.028 ndithume oonomeva phambi kwakho, bawagxothe amaHivi, namaKanan, namaHiti, asuke phambi kwakho.
23:29b.EXO.023.029 Andiyi kuwagxotha phambi kwakho ngamnyaka mnye, hleze ilizwe kube senkangala kulo, ande amarhamncwa asendle phezu kwakho.
23:30b.EXO.023.030 Ndiya kumana ukuwagxotha kancinane phambi kwakho, ude wande, ulidle ilifa ilizwe.
23:31b.EXO.023.031 Ndoyimisa imida yakho, ithabathele kuLwandle oluBomvu ise kulwandle lwamaFilisti; ithabathele entlango, ise kuwo uMlambo; kuba abemi belo lizwe ndiya kubanikela esandleni sakho, ubagxothe phambi kwakho.
23:32b.EXO.023.032 Uze unganqophisani nabo, kwanoothixo babo;
23:33b.EXO.023.033 ize bangemi kwelo zwe lakho, hleze bakwenze undone. Xa uthe wabakhonza oothixo babo, inene, oko koba ngumgibe kuwe.
24
24:1b.EXO.024.001 Wathi ke kuMoses, Nyuka uye kuYehova, wena noAron, uNadabhi, noAbhihu, namashumi asixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ninqule nikude;
24:2b.EXO.024.002 kusondele uMoses yedwa kuYehova; bangasondeli bona, nabantu bangenyuki naye.
24:3b.EXO.024.003 Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, namasiko onke. Baphendula bonke abantu ngazwi-nye, bathi, Onke amazwi awathethileyo uYehova sowenza.
24:4b.EXO.024.004 Wawabhala uMoses onke amazwi kaYehova, wavuka kusasa, wakha isibingelelo emazantsi entaba, nezimiso zamatye zalishumi elinazibini, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.
24:5b.EXO.024.005 Wathuma abafana bakoonyana bakwaSirayeli, banyusa amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yoxolo, iinkunzi ezintsha zeenkomo kuYehova.
24:6b.EXO.024.006 UMoses wathabatha isiqingatha segazi, wasigalela ezidendelekweni, esinye isiqingatha segazi wasitshiza esibingelelweni.
24:7b.EXO.024.007 Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa ezindlebeni zabantu; bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive.
24:8b.EXO.024.008 Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Nalo igazi lomnqophiso awenzayo uYehova nani ngala mazwi onke.
24:9b.EXO.024.009 Wenyuka uMoses noAron, uNadabhi noAbhihu, namashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli.
24:10b.EXO.024.010 Bambona uThixo wamaSirayeli; phantsi kweenyawo zakhe kwaye kunjengento eyenziwe ngesafire eqaqambileyo, njengenkqu yezulu lisile.
24:11b.EXO.024.011 Amanene oonyana bakaSirayeli akawasanga sandla. Ambona ke uThixo, adla, asela.
24:12b.EXO.024.012 Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uze kum entabeni, ube khona, ndikunike amacwecwe amatye enomyalelo nomthetho, endiwubhalele ukuze bayalwe ngawo.
24:13b.EXO.024.013 Wesuka uMoses noYoshuwa, umlungiseleli wakhe, wenyuka ke uMoses waya entabeni kaThixo.
24:14b.EXO.024.014 Wathi kumadoda amakhulu, Hlalani, nisilinde apho, side sibuye, size kuni. Yabonani, uAron noHure banani; onendawo yokumangala makasondele kubo.
24:15b.EXO.024.015 Wenyuka ke uMoses waya entabeni; ilifu layigubungela intaba.
24:16b.EXO.024.016 Ubuqaqawuli bukaYehova bahlala phezu kwentaba yeSinayi; ilifu layigubungela iintsuku ezintandathu; wamemeza kuMoses ngosuku lwesixhenxe phakathi efini.
24:17b.EXO.024.017 Ke ukubonakala kobuqaqawuli bukaYehova, emehlweni oonyana bakaSirayeli, kwaye kunjengomlilo otshayo encotsheni yentaba.
24:18b.EXO.024.018 Wangena uMoses phakathi efini, wenyuka ke intaba uMoses; waba sentabeni apho iimini ezimashumi mane, nobusuku obumashumi mane.
25
25:1b.EXO.025.001 Wathetha uYehova kuMoses, wathi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bandizisele umrhumo.
25:2b.EXO.025.002 Nowuthabatha umrhumo wam ebantwini bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo.
25:3b.EXO.025.003 Nguwo lo ke umrhumo eniya kuwuthabatha kubo: igolide, nesilivere, nobhedu;
25:4b.EXO.025.004 nento emsi nemfusa nebomwu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;
25:5b.EXO.025.005 nezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi;
25:6b.EXO.025.006 nemingampunzi, ioli yesikhanyiso, ubulawu beoli yentambiso, nobesiqhumiso esiqholiweyo;
25:7b.EXO.025.007 amatye ebherilo, namatye okufakwe e-efodini, nawobengo;
25:8b.EXO.025.008 bandenzele indawo engcwele, ndihlale phakathi kwabo.
25:9b.EXO.025.009 Njengako konke endikubonisa kona: ngokomfanekiso womnquba, nomfanekiso weempahla zawo zonke, ize nenjenjalo ukuwenza.
25:10b.EXO.025.010 Mabenze ityeya yomngampunzi. Ubude bayo mabube ziikubhite zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo bube yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha;
25:11b.EXO.025.011 uyaleke ngegolide ecocekileyo, uyaleke ngaphakathi nangaphandle, uze uyithi jize ngesithsaba segolide;
25:12b.EXO.025.012 woyityhidela amakhonkco egolide abe mane, uwafake emilenzeni yayo yomine, amakhonkco abe mabini ngeli icala, amakhonkco abe mabini ngelinya icala;
25:13b.EXO.025.013 wenze izibonda ngomngampunzi, uzaleke ngegolide,
25:14b.EXO.025.014 uzifake izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ithwalwe ngazo ityeya leyo.
25:15b.EXO.025.015 Zoba semakhonkcweni etyeya izibonda ezo; maze zingarholwa kuyo.
25:16b.EXO.025.016 Isingqino, endiya kukunika sona, uze usibeke etyeyeni.
25:17b.EXO.025.017 Uze wenze isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso mabube ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso bube yikubhite enesiqingatha.
25:18b.EXO.025.018 Uze wenze iikerubhi zibe mbini ngegolide; ukuzenza wozikhanda, zivele eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha;
25:19b.EXO.025.019 wenze ikerubhi ibe nye ivele esiphelweni seli icala, enye ikerubhi ivele esiphelweni seliya, esihlalweni sokucamagusha; wozenza iikerubhi zivele eziphelweni zaso zozibini.
25:20b.EXO.025.020 Maze iikerubhi ziwolule amaphiko phezulu, zisisithelise ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha, ubuso bazo bukhangelane, bubheke esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi ezo.
25:21b.EXO.025.021 Uze usibeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya; ufake etyeyeni isingqino endiya kukunika sona.
25:22b.EXO.025.022 Ndiya kuhlangana nawe khona, ndithethe nawe ndisesihlalweni sokucamagusha, phakathi kweekerubhi zombini eziphezu kwetyeya yesingqino, ngeento zonke endiya kukuwisela umthetho ngazo koonyana bakaSirayeli.
25:23b.EXO.025.023 Uze wenze netafile ngomngampunzi. Ubude bayo boba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo bube yikubhite, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha;
25:24b.EXO.025.024 uyaleke ngegolide ecocekileyo, uyenzele isithsaba segolide esithi jize.
25:25b.EXO.025.025 Uze uyenzele udini olungangobubanzi besandla ngeenxa zonke, ulwenzele udini lwayo isithsaba segolide esithe jize.
25:26b.EXO.025.026 Woyenzela amakhonkco egolide abe mane, uwafake amakhonkco omane ezimbombeni zone ezisemilenzeni yayo yomine.
25:27b.EXO.025.027 Oba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, abe ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile;
25:28b.EXO.025.028 uzenze izibonda ezo ngomngampunzi, uzaleke ngegolide, ithwalwe ngazo itafile.
25:29b.EXO.025.029 Uze wenze izitya zayo, neenkamba zayo, neendebe zayo, nemicephe yayo ekuya kuthungwa ngayo; uzenze ngegolide ecocekileyo;
25:30b.EXO.025.030 ubeke etafileni izonka zokubonisa, phambi kwam ngamaxesha onke.
25:31b.EXO.025.031 Uze wenze nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza, wosikhanda isiphatho eso: isikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso zivele kwakuso;
25:32b.EXO.025.032 amasebe amathandathu avele emacaleni aso; amasebe amathathu esiphatho avele kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avele kweliya icala laso.
25:33b.EXO.025.033 Zoba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina neentyantyambo, kweli isebe; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile, zibe zinamaqhina neentyantyambo, kweliya isebe; makube njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.
25:34b.EXO.025.034 Zoba ne iindebe esiphathweni, ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso;
25:35b.EXO.025.035 ibe liqhina phantsi kwamasebe omabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, abe ngawamasebe amathandathu avelayo esiphathweni eso.
25:36b.EXO.025.036 Amaqhina awo, namalungu awo avele kuso, sonke siphela masibe ngumkhando omnye wegolide ecocekileyo.
25:37b.EXO.025.037 Uze wenze izibane zaso zibe sixhenxe, uzimise izibane zaso, zikhanyisele icala elikhangelene nomphambili waso.
25:38b.EXO.025.038 Nozenza izifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo.
25:39b.EXO.025.039 Nosenza ngetalente yegolide ecocekileyo, sona nezo mpahla zonke.
25:40b.EXO.025.040 Khangela ke, uzenze ngokomfuziselo wazo, owawubona entabeni.
26
26:1b.EXO.026.001 Ke umnquba uze uwenze ngeshumi lamalengalenga elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, nangemisonto emsi nemfusa nebomvu. Wowenzela iikerubhi umsebenzi wengcibi yokuluka.
26:2b.EXO.026.002 Ubude belengalenga lilinye boba ziikubhite ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye bube ziikubhite ezine; onke amalengalenga alingane.
26:3b.EXO.026.003 Amalengalenga amahlanu ohlanganiswa, elinye nelinye; namalengalenga amahlanu ohlanganiswa, elinye nelinye.
26:4b.EXO.026.004 Uze wenze amasango emisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni, ekuhlanganeni; wenjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.
26:5b.EXO.026.005 Wowenza amasango abe mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga; wenze amasango abe mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini, ukuze amasango alungelelane elinye nelinye;
26:6b.EXO.026.006 wenze amagwegwe egolide abe mashumi mahlanu, uwahlanganise amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, ube mnquba mnye.
26:7b.EXO.026.007 Uze wenze amalengalenga ngoboya beebhokhwe abe yintente phezu komnquba, uwenze amalengalenga lawo abe lishumi elinalinye.
26:8b.EXO.026.008 Ubude belengalenga lilinye boba ziikubhite ezimashumi mathathu; ububanzi belengalenga lilinye boba ziikubhite ezine; loo malengalenga alishumi elinalinye olingana.
26:9b.EXO.026.009 Wowahlanganisa odwa amalengalenga amahlanu, namalengalenga amathandathu odwa; elesithandathu ilengalenga uliphinde phambi kwentente ngaphambili;
26:10b.EXO.026.010 wenze amasango abe mashumi mahlanu emphethweni welengalenga elo lokugqibela, ekuhlanganeni namasango, abe mashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga elihlanganiswe nelinye.
26:11b.EXO.026.011 Uze wenze amagwegwe obhedu abe mashumi mahlanu, uwafake amagwegwe awo emasangweni, uyihlanganise intente ibe nye.
26:12b.EXO.026.012 Ke ukwanekwa kwendawo egqithiseleyo emalengalengeni entente, sothi isiqingatha selengalenga eligqithiseleyo sanekwe kwelasemva icala lomnquba;
26:13b.EXO.026.013 ithi ikubhite ngapha nekubhite ngapho, endaweni egqithiseleyo ebudeni bamalengalenga entente, yanekwe emacaleni omnquba ngapha nangapho, iwugubungele.
26:14b.EXO.026.014 Intente uze uyenzele isigubungelo ngezintsu zeenkunzi zezimvu, ezenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi ngaphezulu kweso.
26:15b.EXO.026.015 Umnquba uze uwenzele iiplanga ngomngampunzi, zime.
26:16b.EXO.026.016 Ubude beplanga boba ziikubhite ezilishumi, ububanzi beplanga inye bube yikubhite enesiqingatha.
26:17b.EXO.026.017 Iplanga inye yoba neempondlo ezimbini, zihlangene olunye nolunye; wenjenjalo eziplangeni zonke zomnquba.
26:18b.EXO.026.018 Umnquba uze uwenzele iiplanga, zibe mashumi mabini iiplanga ngecala lasezantsi ngasezantsi;
26:19b.EXO.026.019 wenze iziseko zesilivere, zibe mashumi mane phantsi kweeplanga ezimashumi mabini: zibe zibini iziseko, phantsi kweplanga inye, zeempondlo zayo zombini; zibe zibini iziseko, phantsi kweplanga inye, zeempondlo zayo zombini.
26:20b.EXO.026.020 Ezecala lesibini lomnquba ngelasentla icala zoba mashumi mabini iiplanga;
26:21b.EXO.026.021 neziseko zazo zesilivere zibe mashumi mane; iziseko zibe zibini phantsi kweplanga inye; zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye.
26:22b.EXO.026.022 Ezomva womnquba ngasentshonalanga wozenza zibe ntandathu iiplanga.
26:23b.EXO.026.023 Iiplanga ezimbini uze uzenze iimbombo zomnquba emaphundwini omabini;
26:24b.EXO.026.024 zibe ngamawele, zithabathele ezantsi ukuhlangana; zibe nto-nye kude kuse entloko, ziye khonkcweni linye. Koba njalo kuwo omabini, abe ngaweembombo zombini.
26:25b.EXO.026.025 Zoba ziiplanga ezisibhozo neziseko zazo zesilivere, zibe ziziseko ezilishumi elinazithandathu: zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye, zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye.
26:26b.EXO.026.026 Maze wenze imivalo ngomngampunzi: ibe mihlanu eziplangeni zelinye icala lomnquba,
26:27b.EXO.026.027 ibe mihlanu imivalo eziplangeni zelesibini icala lomnquba, ibe mihlanu imivalo eziplangeni zecala lomnquba, emaphundwini ngasentshonalanga.
26:28b.EXO.026.028 Umvalo othi gabhu phakathi eziplangeni ezo mawuvale, usuka ekupheleni uye ekupheleni.
26:29b.EXO.026.029 Uze uzaleke iiplanga ngegolide; amakhonkco azo uwenze ngegolide, abe ziindawo zemivalo; ke imivalo uyaleke ngegolide.
26:30b.EXO.026.030 Uwumise umnquba ngokwesiko lawo olibonileyo entabeni.
26:31b.EXO.026.031 Uze wenze umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo: wowenzela iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka.
26:32b.EXO.026.032 Uze uwuxhome ezintsikeni ezine zomngampunzi ezalekwe ngegolide, emagwegweni azo egolide, zime phezu kweziseko zozine zesilivere;
26:33b.EXO.026.033 wowuxhoma umkhusane emakhonkcweni, ityeya yesingqino uyingenise khona, ngaphaya komkhusane, ukuze umkhusane unahlulele ingcwele kwingcwele kangcwele.
26:34b.EXO.026.034 Uze usibeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya yesingqino, kwingcwele kangcwele;
26:35b.EXO.026.035 uyimise itafile nganeno komkhusane, usimise nesiphatho sesibane malunga netafile, ngecala lomnquba langasezantsi; ke itafile uyibeke ngecala langasentla.
26:36b.EXO.026.036 Umnyango wentente uze uwenzele isisitheliso, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki.
26:37b.EXO.026.037 Isisitheliso eso uze usenzele iintsika zibe ntlanu ngomngampunzi, uzaleke ngegolide; amagwegwe azo abe ngawegolide; uzityhidele iziseko zobhedu zibe zihlanu.
27
27:1b.EXO.027.001 Uze usenze isibingelelo ngomngampunzi. Ubude baso boba ziikubhite ezintlanu, ububanzi baso bube ziikubhite ezintlanu, sibe mbombo ne isibingelelo; ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezintathu.
27:2b.EXO.027.002 Uze wenze iimpondo zaso ezimbombeni zaso zone, zivele kuso iimpondo zaso; usaleke ngobhedu.
27:3b.EXO.027.003 Uze wenze neenkamba zaso zokuwola uthuthu lwaso, nemihlakulwana yaso, nezitya zaso zokutshiza, neefolokhwe zaso, neengcedevu zaso zamalahle; zonke iimpahla zaso uzenze ngobhedu.
27:4b.EXO.027.004 Wosenzela uthango, umsebenzi ongumnatha ngobhedu; wenze emnatheni lowo amakhonkco abe mane ngobhedu eziphelweni zalo zozine;
27:5b.EXO.027.005 ulubeke phantsi kongqameko olujikeleze isibingelelo, luthabathele ezantsi, lungumnatha, luthi gabhu phakathi esibingelelweni.
27:6b.EXO.027.006 Uze usenzele izibonda isibingelelo, izibonda zomngampunzi, uzaleke ngobhedu;
27:7b.EXO.027.007 zifakwe izibonda zaso emakhonkcweni, zibe semacaleni omabini esibingelelo izibonda ezo ekuthwalweni kwaso.
27:8b.EXO.027.008 Wosenza ngeeplanga, sibe holoholo. Njengoko waboniswa ngako entabeni, mabenjenjalo.
27:9b.EXO.027.009 Uze uyenze intendelezo yomnquba kwelasezantsi icala ngasezantsi, ibe ngamawunduwundu entendelezo elinen ecikizekileyo, ephothiweyo; ubude becala lilinye boba ziikubhite ezilikhulu;
27:10b.EXO.027.010 iintsika zayo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zibe zezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo ibe yeyesilivere.
27:11b.EXO.027.011 Kananjalo ngecala lasentla, ebudeni makubekho amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu ubude bawo, neentsika zalo ezimashumi mabini, neziseko zaso ezimashumi mabini, izezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo ibe yeyesilivere.
27:12b.EXO.027.012 Ububanzi bentendelezo ngecala lasentshonalanga boba ngamawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu. Iintsika zawo zoba lishumi, neziseko zazo zibe lishumi.
27:13b.EXO.027.013 Ububanzi bentendelezo ngecala lempumalanga ngasempumalanga boba ziikubhite ezimashumi mahlanu.
27:14b.EXO.027.014 Amawunduwundu ngelinye icala lesango oba ziikubhite ezilishumi elinantlanu, iintsika zawo zibe ntathu, neziseko zazo zibe zithathu;
27:15b.EXO.027.015 amawunduwundu ngelinye icala lesango abe ziikubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zibe ntathu, neziseko zazo zibe zithathu.
27:16b.EXO.027.016 Esangweni lentendelezo soba sisisitheliso seekubhite ezimashumi mabini semisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki. Iintsika zazo zoba ne, neziseko zaso zibe zine.
27:17b.EXO.027.017 Zonke iintsika zentendelezo eziyijikelezileyo zoba neminqiwu yesilivere; amagwegwe ayo abe ngawesilivere, neziseko zazo zibe zezobhedu.
27:18b.EXO.027.018 Ubude bentendelezo boba ziikubhite ezilikhulu; ububanzi buhambe buba ngamashumi omahlanu, amashumi omahlanu; ukuphakama kube ziikubhite ezintlanu zelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; iziseko zazo zibe zezobhedu.
27:19b.EXO.027.019 Zonke iimpahla zomnquba, ekusetyenzweni kwawo konke, nezikhonkwane zawo zonke, nezikhonkwane zonke zentendelezo, zoba zezobhedu.
27:20b.EXO.027.020 Oonyana bakaSirayeli maze ubawisele umthetho wokuba bakuzisele ioli eqaqambileyo yemingquma engqushiweyo, yesikhanyiso, ukuba bamise isibane samaxesha onke,
27:21b.EXO.027.021 ententeni yokuhlangana, nganeno komkhusane ophambi kwesingqino. UAron noonyana bakhe bosilungisa, kuthabathele ngokuhlwa kude kuse, phambi koYehova; ibe ngummiselo onganuphakade kwizizukulwana zabo, ngenxa yoonyana bakaSirayeli.
28
28:1b.EXO.028.001 Wena ke sondeza kuwe uAron umkhuluwa wakho, enoonyana bakhe, umthabathe phakathi koonyana bakaSirayeli abe ngumbingeleli kum: uAron, noNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare, oonyana baka-Aron;
28:2b.EXO.028.002 uAron, umkhuluwa wakho, umenzele izambatho ezingcwele, zibe zezozuko nezokuhomba.
28:3b.EXO.028.003 Uze uthethe wena kubo bonke abantliziyo zilumkileyo, endibazalise ngomoya wobulumko, bazenze izambatho zika-Aron zokumngcwalisa, abe ngumbingeleli kum.
28:4b.EXO.028.004 Zizo ke ezi izambatho abaya kuzenza: ubengo, ne-efodi, nengubo yokwaleka, nengubo yangaphantsi elukwe ngokwesindlwane, nonkontsho, nombhinqo; bamenzele ke izambatho ezingcwele uAron, umkhuluwa wakho, noonyana bakhe, abe ngumbingeleli kum.
28:5b.EXO.028.005 Bothabatha bona igolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
28:6b.EXO.028.006 Maze bayenze iefodi ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi ke lowo wengcibi yokuluka.
28:7b.EXO.028.007 Yoba neziziba ezibini zamagxa, zokuyixakatha emiphethweni yayo yomibini, ixakathwe ke.
28:8b.EXO.028.008 Nombhinqo ophezu kwayo, wokuyinxiba iefodi, mawube njengokusetyenzwa kwayo, uphume kuyo, ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
28:9b.EXO.028.009 Uze uthabathe amatye ebherilo abe mabini, ukrole kuwo amagama oonyana bakaSirayeli;
28:10b.EXO.028.010 amagama amathandathu abo oba kwelinye ilitye, namagama amathandathu amanye abe kwelesibini ilitye, ngokweenzala zabo.
28:11b.EXO.028.011 Wowakrola amatye omabini, ngokomsebenzi womkroli wamatye, ngokrolo lomsesane wokutywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli, uwabhijele ngomluko wegolide.
28:12b.EXO.028.012 Uze uwabeke amatye omabini ezizibeni zamagxa ze-efodi, abe ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli; awathwale uAron amagama abo phambi koYehova ezizibeni zamagxa akhe omabini, abe sisikhumbuzo.
28:13b.EXO.028.013 Uze wenze nemiluko yegolide;
28:14b.EXO.028.014 neentsontelo ezimbini zegolide ecocekileyo, uzenze zithi shinyi, zibe ngumsebenzi osontiweyo, uzifake iintsontelo ezo zisontiweyo emilukweni yegolide.
28:15b.EXO.028.015 Uze ulwenze ubengo lwesigwebo, umsebenzi ke lowo wengcibi yokuluka, ulwenze njengokwenziwa kwe-efodi, ulwenze ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
28:16b.EXO.028.016 Loba mbombo-ne, luphindwe: ubude balo bube kukolulwa kweminwe, ububanzi balo bube kukolulwa kweminwe.
28:17b.EXO.028.017 Uze ufake kulo imifakwa yamatye, imikrozo emine yamatye; ibe lukrozo lwesardiyo, netopazi, nesmarado, lukrozo lokuqala ke olo;
28:18b.EXO.028.018 ukrozo lwesibini lube yirubhi, nesafire, nekalikedo;
28:19b.EXO.028.019 ukrozo lwesithathu lube yihakinto, neagati, neametiste;
28:20b.EXO.028.020 ukrozo lwesine lube yikrizolite, nebherilo, neyaspisi; ibe ngumluko wegolide ekufakweni kwawo;
28:21b.EXO.028.021 amatye lawo abe umgokwamagama oonyana bakaSirayeli, abe lishumi elinamabini ngokwamagama abo; abe nokrolo lomsesane wokutywina, lithi elo libe negama lalo ngokwamagama ezizwe ezilishumi elinazibini.
28:22b.EXO.028.022 Uze wenze elubengweni iintsontelo ezithe shinyi, umsebenzi ke lowo osontiweyo ngegolide ecocekileyo;
28:23b.EXO.028.023 wenze elubengweni amakhonkco abe mabini ngegolide, uwafake loo makhonkco mabini emancamini omabini obengo;
28:24b.EXO.028.024 uzifake iintsontelo zombini zegolide esontiweyo, emakhonkcweni amabini asemancamini obengo;
28:25b.EXO.028.025 namancam omabini eentsontelo zombini uwafake emilukweni yomibini, uwafake ezizibeni zamagxa e-efodi, phambili kuyo.
28:26b.EXO.028.026 Uze wenze amakhonkco amabini ngegolide, uwafake emancamini omabini obengo, emphethweni walo okwicala elikhangelene ne-efodi, elibheke ngaphakathi;
28:27b.EXO.028.027 wenze amanye amakhonkco amabini ngegolide, uwafake ezizibeni zozibini zamagxa e-efodi ngaphantsi, mayela nomphambili wayo, kufuphi nokuhlangana kwayo, entla kombhinqo we-efodi;
28:28b.EXO.028.028 ulunxibelele ubengo ngamakhonkco alo emakhonkcweni e-efodi ngentsontelo yemisonto emsi, lube sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungasuki ubengo kuyo iefodi.
28:29b.EXO.028.029 Wowathwala uAron amagama oonyana bakaSirayeli elubengweni lwesigwebo phezu kwentliziyo yakhe, ekungeneni kwakhe engcweleni, luhlale lusisikhumbuzo phambi koYehova.
28:30b.EXO.028.030 Uze ufake elubengweni lwesigwebo iiUrim neeTumim, zibe phezu kwentliziyo ka-Aron ekungeneni kwakhe phambi koYehova, ahlale ethwele uAron isigwebo soonyana bakaSirayeli phezu kwentliziyo yakhe phambi koYehova.
28:31b.EXO.028.031 Ingubo yokwaleka ye-efodi maze uyenze yonke ngemisonto emsi.
28:32b.EXO.028.032 Umqala wamantla ayo woba sesazulwini sayo, umqala ube nomphetho owujikelezileyo, ongumsebenzi womluki, ube njengomqala wesigcina-sifuba kuyo, ukuze ingakrazuki.
28:33b.EXO.028.033 Uze wenze emqukumbelweni wayo ngasezantsi iirharnate ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, zizunguleze emqukumbelweni wayo; namankenteza egolide phakathi kwazo, azunguleze.
28:34b.EXO.028.034 Kobakho inkenteza legolide nerharnate, inkenteza legolide nerharnate, emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kuzunguleze;
28:35b.EXO.028.035 ayinxibe uAron, ukuba alungiselele; sivakale isandi sayo ekungeneni kwakhe engcweleni phambi koYehova, nasekuphumeni kwakhe, ukuze angafi.
28:36b.EXO.028.036 Uze wenze imbasa ngegolide ecocekileyo, ukrole kuyo ngokrolo lomsesane wokutywina, uthi, ingcwele kuYehova;
28:37b.EXO.028.037 uyifake umtya wemisonto emsi, inxitywe elunkontshweni. Yoba ngaphambili elunkontshweni,
28:38b.EXO.028.038 ibe sebunzi kuAron, ukuze abuthwale uAron ubungwenxa bezinto ezingcwele, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli eminikelweni yabo yonke engcwele; ihlale isebunzi kuye, ukuze zibakholekise zona phambi koYehova.
28:39b.EXO.028.039 Uze uyiluke ingubo yangaphantsi ngelinen ecikizekileyo, unkontsho ulwenze ngelinen ecikizekileyo, uwenze nombhinqo ngokomsebenzi oyimfakamfele womluki.
28:40b.EXO.028.040 Wobenzela oonyana baka-Aron iingubo zangaphantsi, ubenzele umbhinqo; ubenzele neminqwazi, ibe yeyozuko neyokuhomba;
28:41b.EXO.028.041 uzinxibe kuAron umkhuluwa wakho, nakoonyana bakhe benaye, ubathambise, ubamisele, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum.
28:42b.EXO.028.042 Wobenzela iibhulukhwe zelinen emhlophe zokufihla ubuze babo, zithabathele esinqeni zise emathangeni;
28:43b.EXO.028.043 bazinxibe uAron noonyana bakhe ekungeneni kwabo emnqubeni wokuhlangana, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kulungiselela engcweleni, bangathwali ubugwenxa bafe: ibe ngummiselo ongunaphakade kuye, nakwimbewu yakhe emva kwakhe.
29
29:1b.EXO.029.001 Yiyo le into owoyenza kubo yokubangcwalisa, ukuba babe ngababingeleli kum: Thabatha inkunzi entsha, ithole lenkomo, neenkunzi zezimvu ezigqibeleleyo zibe mbini;
29:2b.EXO.029.002 nesonka esingenagwele, nemiqhathane engenagwele egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba, ezingenagwele, zithanjiswe ngeoli: uzenze ngomgubo ocoliweyo.
29:3b.EXO.029.003 Wozibeka ngobozini-nye, uzisondeze ngengobozi leyo, kwanenkunzi entsha yenkomo, neenkunzi zezimvu zombini.
29:4b.EXO.029.004 UAron noonyana bakhe uze ubasondeze emnyango wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi;
29:5b.EXO.029.005 uzithabathe izambatho, umnxibe uAron ingubo engaphantsi, nengubo yokwaleka ye-efodi, ne-efodi, nobengo, umbhinqise ngombhinqo we-efodi;
29:6b.EXO.029.006 umbeke unkontsho entlokweni yakhe, ubeke isithsaba esingcwele elunkontshweni olo.
29:7b.EXO.029.007 Uze uthabathe ioli yentambiso, uyithululele entlokweni yakhe, umthambise.
29:8b.EXO.029.008 Oonyana bakhe ke wobasondeza, ubanxibe iingubo zangaphantsi;
29:9b.EXO.029.009 ubabhinqise umbhinqo, uAron noonyana bakhe, ubanxibe iminqwazi, bube bobabo ububingeleli, bube ngummiselo ongunaphakade; ubamisele uAron noonyana bakhe.
29:10b.EXO.029.010 Uze uyisondeze inkunzi entsha phambi kwentente yokuhlangana, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi entsha.
29:11b.EXO.029.011 Woyixhela inkunzi entsha phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana,
29:12b.EXO.029.012 ucaphule egazini lenkunzi entsha, uliqabe ezimpondweni zesibingelelo ngomnwe wakho; lonke igazi uliphalazele esisekweni sesibingelelo;
29:13b.EXO.029.013 uthabathe wonke umhlehlo ogubungele izibilini, nomhlehlo ophezu kwesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, uqhumisele ngazo esibingelelweni.
29:14b.EXO.029.014 Yona inyama yenkunzi entsha, nesikhumba sayo, nomswane wayo, wozitshisa ezo zinto ngomlilo, ngaphandle kweminquba yenu. Lidini lesono elo.
29:15b.EXO.029.015 Woyithabatha enye inkunzi yemvu leyo, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi yemvu leyo.
29:16b.EXO.029.016 Uze uyixhele inkunzi yemvu, ulithabathe igazi layo, ulitshize esibingelelweni, ujikelezise.
29:17b.EXO.029.017 Woyityatya inkunzi yemvu, uzihlambe izibilini zayo neentungo zayo, uzibeke phezu kweenyama zayo, naphezu kwentloko yayo;
29:18b.EXO.029.018 uqhumisele ngenkunzi yemvu iphela esibingelelweni. Elo lidini elinyukayo kuYehova, livumba elithozamisayo, kukudla kwasemlilweni kuYehova.
29:19b.EXO.029.019 Uze uyithabathe eyesibini inkunzi yemvu, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi yemvu leyo.
29:20b.EXO.029.020 Woyixhela inkunzi yemvu, ucaphule egazini layo, uliqabe esithinzini sendlebe yasekunene ka-Aron, nasesithinzini sendlebe yasekunene yoonyana bakhe, nasesithupheni sesandla sabo sokunene, nakubhontsi wonyawo lwabo lwasekunene, ulitshize igazi esibingelelweni, ujikelezise;
29:21b.EXO.029.021 ucaphule egazini eliphezu kwesibingelelo, naseolini yentambiso, ulifefe kuAron, nasezambathweni zakhe, nakoonyana bakhe, nasezambathweni zoonyana bakhe ndawonye naye, bangcwaliswe ke, yena nezambatho zakhe, noonyana bakhe, nezambatho zoonyana bakhe ndawonye naye.
29:22b.EXO.029.022 Uze uthabathe enkunzini yemvu amanqatha, nomsila, nomhlehlo ogubungele izibilini, nomhlehlo ophezu kwesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, nomlenze wasekunene; kuba yinkunzi yemvu yokumisela;
29:23b.EXO.029.023 nentendana yesonka, nomqhathane ogalelwe ioli ube mnye, nesonkana esisicaba sibe sinye, engobozini yezonka ezingenagwele eziphambi koYehova.
29:24b.EXO.029.024 Wozibeka zonke ezo zinto ezandleni zika-Aron, nasezandleni zoonyana bakhe, uzitshangatshangise, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova;
29:25b.EXO.029.025 uzithabathe ezandleni zabo, uqhumisele ngazo esibingelelweni, phezu kwedini elinyukayo, zibe livumba elithozamisayo phambi koYehova. Oko kukudla kwasemlilweni kuYehova.
29:26b.EXO.029.026 Uze uthabathe incum yenkunzi yemvu yokumisela uAron, uyitshangatshangise ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, sibe sisabelo sakho eso.
29:27b.EXO.029.027 Woyingcwalisa incum yomtshangatshangiso otshangatshangisiweyo, nomlenze womrhumo orhunyiweyo, enkunzini yemvu yokumisela uAron noonyana bakhe;
29:28b.EXO.029.028 ibe yeka-Aron noonyana bakhe; ibe ngummiselo ongunaphakade, iphuma koonyana bakaSirayeli, kuba ingumrhumo. Woba ngumrhumo ophuma koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo, umrhumo wabo kuYehova.
29:29b.EXO.029.029 Izambatho ezingcwele ezikuAron zoba zezoonyana bakhe emva kwakhe, bathanjiswe ngeoli bezambethe, bamiselwe kuzo.
29:30b.EXO.029.030 Lowo ungumbingeleli esikhundleni sakhe, koonyana bakhe, wozambatha imihla esixhenxe ekungeneni kwakhe ententeni yokuhlangana, ukuba alungiselele engcweleni.
29:31b.EXO.029.031 Inkunzi yemvu yokumisela uze uyithabathe, uyipheke inyama yayo endaweni engcwele;
29:32b.EXO.029.032 bayidle ooAron noonyana bakhe inyama yenkunzi yemvu, kwanesonka esisengobozini, emnyango wentente yokuhlangana.
29:33b.EXO.029.033 Ezo zinto, bekucanyagushwe ngazo, ukubamisela nokubangcwalisa, mabazidle; owasemzini makangazidli, kuba zingcwele.
29:34b.EXO.029.034 Ukuba kuthe kwasala nto enyameni yokumisela nasezonkeni, kwada kwasa, uze uyitshise ngomlilo loo nto iseleyo; ingadliwa, kuba ingcwele.
29:35b.EXO.029.035 Uze wenjenje kuAron nakoonyana bakhe ngokweento zonke endikuwisele umthetho ngazo; wobamisela iintsuku zibe sixhenxe.
29:36b.EXO.029.036 Uze wenze idini lesono ngenkunzi entsha imini ngemini, ukuze kucanyagushwe; isibingelelo usihlambulule isono ekusicamagusheleni kwakho, usithambise, singcwaliswe.
29:37b.EXO.029.037 Imihla yoba sixhenxe isibingelelo usicamagushela, usingcwalise, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele. Zonke izinto ezisichukumisayo isibingelelo eso zoba ngcwele.
29:38b.EXO.029.038 Yiyo ke le into oya kuyibingelela esibingelelweni: ziimvana ezimnyaka mnye zibe mbini, imini ngemini amaxesha onke.
29:39b.EXO.029.039 Enye imvana woyibingelela kusasa, eyesibini imvana uyibingelele lakutshona ilanga.
29:40b.EXO.029.040 Kwimvana yokuqala uze wenze isahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli engqushiweyo esisahlulo sesine sehin, ndawonye nomnikelo othululwayo osisahlulo sesine sehin yewayini.
29:41b.EXO.029.041 Eyesibini imvana woyibingelela lakutshona ilanga, uyenze ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ibe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni kuYehova.
29:42b.EXO.029.042 Elo loba lidini elinyukayo lamaxesha onke kwizizukulwana zenu, emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, apho ndiya kuhlangana nani khona, ndithethe nawe.
29:43b.EXO.029.043 Khona apho ndohlangana noonyana bakaSirayeli, bangcwaliswe ngobuqaqawuli bam;
29:44b.EXO.029.044 ndiyingcwalise intente yokuhlangana nesibingelelo, noAron noonyana bakhe ndibangcwalise, babe ngababingeleli bam.
29:45b.EXO.029.045 Ndohlala phakathi koonyana bakaSirayeli, ndibe nguThixo wabo;
29:46b.EXO.029.046 bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owabakhuphayo ezweni laseYiputa, ukuba ndihlale phakathi kwabo: ndinguYehova uThixo wabo.
30
30:1b.EXO.030.001 Uze wenze isibingelelo sokuqhumisela ngesiqhumiso, usenze ngomngampunzi.
30:2b.EXO.030.002 Ubude baso boba yikubhite, ububanzi baso bube yikubhite, sibe mbombo-ne; ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezimbini, ziphume kuso iimpondo zaso.
30:3b.EXO.030.003 Umphezulu waso wowaleka ngegolide ecocekileyo, namacala aso ngeenxa zonke, neempondo zaso; usithi jize ngesithsaba segolide.
30:4b.EXO.030.004 Uze usenzele amakhonkco abe mabini ngegolide phantsi kwesithsaba saso, ezimbombeni zaso ezimbini, emacaleni aso omabini, abe ziindawo zezibonda, sithwalwe ngazo;
30:5b.EXO.030.005 uzenze izibonda ngomngampunzi, uzaleke ngegolide.
30:6b.EXO.030.006 Uze usibeke nganeno komkhusane ongasetyeyeni yesingqino, phambi kwesihlalo sokucamagusha esiphezu kwesingqino, apho ndiya kuhlangana nawe khona.
30:7b.EXO.030.007 Woqhumisela kuso uAron ngesiqhumiso esimnandi, imiso ngemiso. Woqhumisela ngaso ekulungiseni kwakhe izibane;
30:8b.EXO.030.008 ekuzimiseni uAron izibane, lakutshona ilanga, ahlale eqhumisela ngesiqhumiso phambi koYehova, kwizizukulwana zenu.
30:9b.EXO.030.009 Kuso nize ninganyusi siqhumiso esingesesikweni, nadini linyukayo, namnikelo wakudla; namnikelo uthululwayo ningawuthululeli kuso.
30:10b.EXO.030.010 UAron makacamagushele iimpondo zaso kube kanye ngomnyaka; ngegazi ledini lesono lokucamagusha, kube kanye ngomnyaka; asicamagushele kuse kwizizukulwana zenu: siyingcwele kangcwele kuYehova.
30:11b.EXO.030.011 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
30:12b.EXO.030.012 Xa ulithabathayo inani loonyana bakaSirayeli, ngokubalelwa kwabo encwadini yomlibo wokuzalwa, mabanikele elowo imali yokucamagushela umphefumlo wakhe kuYehova ekubabaleni; ukuze kungabikho sibetho kubo ekubabaleni.
30:13b.EXO.030.013 Nantsi loo nto: bonke abagqithela kwababaliweyo mabanike isiqingatha seshekele ngokweshekele yengcwele (ishekele leyo iziigera ezimashumi mabini); isiqingatha seshekele leyo yoba ngumrhumo kuYehova.
30:14b.EXO.030.014 Bonke abagqithela kwababaliweyo, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, benyusa, mabamnike uYehova umrhumo.
30:15b.EXO.030.015 Isityebi asiyi kugqithisa, nosweleyo akayi kubetha nganeno kwesiqingatha seshekele, ukumnika umrhumo uYehova, ukucamagushela imiphefumlo yenu.
30:16b.EXO.030.016 Uze uyithabathe imali yokucamagusha koonyana bakaSirayeli, uyinikele enkonzweni yentente yokuhlangana; ukuze ibe sisikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, phambi koYehova, ukucamagushela imiphefumlo yenu.
30:17b.EXO.030.017 Wathetha uYehova kuMoses esithi,
30:18b.EXO.030.018 Yenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, kuhlanjelwe kulo; ulubeke phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kulo;
30:19b.EXO.030.019 bahlambele kulo uAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo.
30:20b.EXO.030.020 Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana bohlamba ngamanzi, bangafi; nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kulungiselela nokuqhumisela ngokudla kwasemlilweni kuYehova;
30:21b.EXO.030.021 bohlamba ke izandla zabo neenyawo zabo, ukuze bangafi; ibe ngummiselo ongunaphakade kubo, kuye lo, nakwimbewu yakhe kwizizukulwana zabo.
30:22b.EXO.030.022 Wathetha uYehova kuMoses esithi,
30:23b.EXO.030.023 Thabathela kuwe ubulawu bohlobo: imore, ezivuzelayo ngokwayo, engamakhulu amahlanu eeshekele; isinamon enobulawu ibe sisiqingatha soko, amakhulu abe mabini anamanci mahlanu; nekalamo evumba limnandi, amakhulu abe mabini anamanci mahlanu;
30:24b.EXO.030.024 nekasiya, amakhula abe mahlanu ngokweshekele yengcwele; neoli yeminquma ibe yihin;
30:25b.EXO.030.025 uyenze ibe yioli engcwele yokuthambisa, isiqholo sokuqhola, umsebenzi womqholi, ibe yioli engcwele yokuthambisa.
30:26b.EXO.030.026 Uze uthambise ngayo intente yokuhlangana, netyeya yesingqino,
30:27b.EXO.030.027 netafile nempahla yayo yonke, nesiphatho sezibane nempahla yaso, nesibingelelo sokuqhumisela,
30:28b.EXO.030.028 nesibingelelo sedini elinyukayo neempahla zaso zonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;
30:29b.EXO.030.029 uzingcwalise zibe yingcwele kangcwele. Zonke izinto ezizichukumisayo zoba ngcwele.
30:30b.EXO.030.030 UAron noonyana bakhe uze ubathambise, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum.
30:31b.EXO.030.031 Wothetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Yoba yioli engcwele yokuthambisa kum le, kwizizukulwana zenu.
30:32b.EXO.030.032 Ize ingagalelwa nyameni yamntu; uze ungenzi enjengayo ngomlinganiso wayo; ingcwele yona, mayibe ngcwele kuni.
30:33b.EXO.030.033 Umntu osukuba eqhola enjengayo, nosukuba ethabatha kuyo ayinike ongengowakuni, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
30:34b.EXO.030.034 Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele ubulawu, istorakis, neonike, negalebhana; ubulawu obo bube nentlaka emhlophe engangxengelelweyo, ibe yimilinganiso elinganayo;
30:35b.EXO.030.035 wenze ngabo isiqhumiso esiqholiweyo, umsebenzi womqholi, sigalelwe ityuwa, sihlambulukile, singcwele.
30:36b.EXO.030.036 Woyisila inxenye yazo icoleke, ucaphule, ubeke phambi kwesingqino ententeni yokuhlangana, apho ndiya kuhlangana nawe khona; yoba yingcwele kangcwele kuni.
30:37b.EXO.030.037 Isiqhumiso eso, oya kusenza ngokomlinganiso waso, ize ningazenzeli okwenu; kuwe soba yingcwele kuYehova.
30:38b.EXO.030.038 Umntu osukuba enze esinjengaso, ukuba asijoje, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
31
31:1b.EXO.031.001 Wathetha uYehova kuMoses esithi,
31:2b.EXO.031.002 Khangela, ndibize ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda;
31:3b.EXO.031.003 ndamzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko, nangokuqonda, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke;
31:4b.EXO.031.004 ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,
31:5b.EXO.031.005 nangokukrola amatye, awafake, nangokukrola imithi, asebenze amashishini onke.
31:6b.EXO.031.006 Yabona, mna ndimkhuphe kunye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan; nasezintliziyweni zabo bonke abalumkileyo entliziyweni ndibeke ubulumko, ukuza bazenze zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo:
31:7b.EXO.031.007 intente yokuhlangana, netyeya yesingqino, nesihlalo sokucamagusha esiphezu kwayo, nempahla yonke yentente,
31:8b.EXO.031.008 netafile nempahla yayo, nesiphatho sezibane esicocekileyo, nempahla yaso yonke, nesibingelelo sokuqhumisela,
31:9b.EXO.031.009 nesibingelelo sedini elinyukayo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;
31:10b.EXO.031.010 nezambatho zokubusa, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela;
31:11b.EXO.031.011 neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi sengcwele; benze njengako konke endikuwisele umthetho ngako.
31:12b.EXO.031.012 Wathetha uYehova kuMoses esithi,
31:13b.EXO.031.013 Wena, thetha koonyana bakaSirayeli uthi, Inene, iisabatha zam zigcineni; kuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu, ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo;
31:14b.EXO.031.014 niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni. Lowo uyihlambelayo wobulawa afe; kuba bonke abo basebenza umsebenzi ngayo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebantwini bakowayo.
31:15b.EXO.031.015 Imihla emithandathu wosebenza umsebenzi ngayo, ke umhla wesixhenxe yisabatha kasabatha, ingcwele kuYehova; bonke abo basebenza umsebenzi ngomhla wesabatha, bobulawa bafe.
31:16b.EXO.031.016 Oonyana bakaSirayeli mabayigcine ke isabatha, bayenze isabatha kwizizukulwana zabo: ingumnqophiso ongunaphakade.
31:17b.EXO.031.017 Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli, ngumqondiso ongunaphakade; kuba imihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla.
31:18b.EXO.031.018 Akukhova ukuthetha naye entabeni yaseSinayi, wamnika uMoses amacwecwe amabini esingqino, amacwecwe amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo.
32
32:1b.EXO.032.001 Ke babona abantu ukuba uMoses ulibele, akehli entabeni; bababizela ndawonye abantu kuAron, bathi kuye, Sukume, usenzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.
32:2b.EXO.032.002 Wathi uAron kubo, Qhawulani amajikazi egolide, asezindlebeni zabafazi benu, noonyana benu, neentombi zenu, niwazise kum.
32:3b.EXO.032.003 Bawaqhawula ke abantu bonke amajikazi egolide abesezindlebeni zabo, bawazisa kuAron.
32:4b.EXO.032.004 Wawathabatha ezandleni zabo, wayikrola igolide ngentlabo, wayenza ithole elityhidiweyo. Bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa!
32:5b.EXO.032.005 Wabona uAron, wakha isibingelelo phambi kwalo; wadanduluka uAron wathi, Ngumthendeleko kuYehova ngomso.
32:6b.EXO.032.006 Bavuka kusasa ngengomso, banyusa amadini anyukayo, basondeza imibingelelo yoxolo; bahlala phantsi abantu, badla basela, besuka bema, badlala.
32:7b.EXO.032.007 Wathi uYehova kuMoses, Hamba uhle; kuba abantu bakho, owabanyusayo ezweni laseYiputa, bonakalisile;
32:8b.EXO.032.008 batyeke msinya endleleni endabawisela umthetho ngayo; bazenzele ithole elityhidiweyo, balinqula, babingelela kulo, bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa.
32:9b.EXO.032.009 Wathi uYehova kuMoses, Ndibakhangele aba bantu; uyabona, ngabantu abantamo ilukhuni.
32:10b.EXO.032.010 Kaloku ndiyeke, uvuthe umsindo wam kubo, ndibadle, ndenze wena uhlanga olukhulu.
32:11b.EXO.032.011 UMoses wambongoza uYehova uThixo wakhe, wathi, Yini na, Yehova, ukuba uvuthe umsindo wakho kubantu bakho, obakhuphileyo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu, nangesandla esithe nkqi?
32:12b.EXO.032.012 Yini na ukuba amaYiputa atsho ukuthi, Wabakhuphela ububi, ukuze ababulalele ezintabeni, abagqibele bemke emhlabeni? Buya ekuvutheni komsindo wakho, uzohlwaye ngobubi obo ngenxa yabantu bakho.
32:13b.EXO.032.013 Khumbula uAbraham noIsake noSirayeli, abakhonzi bakho, owazifunga ngokwakho kubo, wathi kubo, Ndiya kuyandisa imbewu yenu ibe njengeenkwenkwezi zezulu, neli lizwe lonke ndithethileyo ngalo, ndiya kulinika imbewu yenu, ilidle ilifa ngonaphakade.
32:14b.EXO.032.014 Wazohlwaya ke uYehova ngobubi abethe uya kubenza ebantwini bakhe.
32:15b.EXO.032.015 Wajika uMoses, wehla entabeni, enamacwecwe omabini esingqino esandleni sakhe, amacwecwe lawo ebhalwe ngamacala omabini, ebhalwe ngapha nangapha.
32:16b.EXO.032.016 Amacwecwe lawo ebengumsebenzi kaThixo, nombhalo lowo ubungumbhalo kaThixo ukroliwe emacwecweni.
32:17b.EXO.032.017 Waliva uYoshuwa izwi labantu ekudumeni kwabo, wathi kuMoses, Lilizwi lemfazwe eminqubeni.
32:18b.EXO.032.018 Wathi yena, Asilizwi lakuduma kwabeyisayo, asilizwi lakukhala kwabeyiswayo; lilizwi labahlabelayo nabavumayo, endilivayo mna.
32:19b.EXO.032.019 Kwathi, xa asondelayo eminqubeni, walibona ithole nomdudo. Wavutha umsindo kaMoses, wawalahla amacwecwe, wawaqhekeza emazantsi entaba.
32:20b.EXO.032.020 Walithabatha ithole ababelenzile, walitshisa ngomlilo, walisila lada lacoleka, waligcwayela emanzini, waseza oonyana bakaSirayeli.
32:21b.EXO.032.021 Wathi uMoses kuAron, Benze ntoni na aba bantu kuwe, ukuba ubazisele isono esikhulu kangaka?
32:22b.EXO.032.022 Wathi uAron, Umsindo wenkosi yam mawungavuthi. Wena uyabazi aba bantu, ukuba banobubi.
32:23b.EXO.032.023 Bathi kum, Senzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.
32:24b.EXO.032.024 Ndathi kubo, Ubani onegolide makayiqhawule; bandinika ke. Ndayiphosa emlilweni kwaphuma eli thole.
32:25b.EXO.032.025 Wababona uMoses abantu, ukuba baqhawule umkhala (kuba uAron ebebaqhawulisile umkhala, ukuba babe yintlekisa phakathi kwabo bachasene nabo);
32:26b.EXO.032.026 wema uMoses ekungeneni eminqubeni, wathi, OngakuYehova makeze kum apha. Bantontelana kuye bonke oonyana bakaLevi.
32:27b.EXO.032.027 Wathi kubo, Utsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Mabanxibe elowo ikrele lakhe ethangeni lakhe, bathunge bephuma emasangweni eminquba, babulale elowo umzalwana wakhe, elowo uwabo, elowo ummelwane wakhe.
32:28b.EXO.032.028 Benza oonyana bakaLevi ngokwelizwi likaMoses; kwawa ebantwini loo mini ngathi ngamawaka omathathu amadoda.
32:29b.EXO.032.029 Wathi uMoses, Zimiseleni namhla kuYehova, ukuba umntu achase unyana wakhe nomzalwana wakhe, ithotywe namhla intsikelelo phezu kwenu.
32:30b.EXO.032.030 Kwathi ngengomso, uMoses wathi ebantwini, Nonile nina, nenza isono esikhulu; ndiya kunyuka ngoku ndiye kuYehova; mhlawumbi ndingacamagusha ngenxa yesono senu.
32:31b.EXO.032.031 UMoses wabuya waya kuYehova, wathi, Yoo! Aba bantu bonile, benza isono esikhulu, bazenzela uthixo ngegolide.
32:32b.EXO.032.032 Khawusixolele ngoko isono sabo; ukuba akunakuba njalo, wose undicima encwadini yakho oyibhalileyo.
32:33b.EXO.032.033 Wathi uYehova kuMoses, Ubani osukuba onile kum, ndiya kucima yena encwadini yam.
32:34b.EXO.032.034 Ke ngoko hamba ubalathise abantu, baye kuloo ndawo ndathethayo ngayo kuwe. Yabona, isithunywa sam sohamba phambi kwakho; ke mini ndivelelayo, ndiya kusivelela isono sabo kubo.
32:35b.EXO.032.035 Ke uYehova wababulala abantu ngenxa yokuba belenzile ithole elo walenzayo uAron.
33
33:1b.EXO.033.001 Wathi uYehova kuMoses, Hamba unyuke, umke apha, wena nabantu obanyusileyo ezweni laseYiputa, uye kulo ilizwe endalifungela uAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho.
33:2b.EXO.033.002 Ndothuma phambi kwakho isithunywa, ndiwagxothe amaKanan, nama-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi;
33:3b.EXO.033.003 niye ezweni elibaleka amasi nobusi; ke andisayi kunyuka phakathi kwenu nina; kuba ningabantu abantamo ilukhuni, hleze ndiniphelise endleleni.
33:4b.EXO.033.004 Baliva ke abantu elo lizwi libi, benza isijwili; akwabakho mntu uzinxibayo izivatho zakhe.
33:5b.EXO.033.005 Wathi uYehova kuMoses, Yithi koonyana bakaSirayeli, Ningabantu abantamo ilukhuni; ndingathi, ndinyuke phakathi kwenu, ndiniphelise ngephanyazo. Ke ngoko, zikhululeni izivatho zenu, ndize ndazi endokwenza kuni.
33:6b.EXO.033.006 Bazijaca oonyana bakaSirayeli izivatho zabo, beqalela entabeni yaseHorebhe.
33:7b.EXO.033.007 Wayithabatha uMoses intente, wayitwabululela ngaphandle kweminquba, kude neminquba, wathi yintente yokuhlangana. Kwathi ke, bonke abamfunayo uYehova baphuma, baya ententeni leyo yokuhlangana ingaphandle kweminquba.
33:8b.EXO.033.008 Kwathi, xa uMoses aphumayo esiya ententeni leyo, besuka bema bonke abantu, walowo wema emnyango wentente yakhe, wakhangela kuMoses, wada waya kungena ententeni leyo.
33:9b.EXO.033.009 Kwathi, xa uMoses wangenayo ententeni leyo, wehla umqulu welifu, wema emnyango wentente leyo; wathetha yena noMoses.
33:10b.EXO.033.010 Bawubona abantu bonke umqulu welifu, umi emnyango wentente leyo; besuka bema bonke abantu, baza baqubuda, elowo esemnyango wentente yakhe.
33:11b.EXO.033.011 UYehova wathetha kuMoses, bekhangelene ebusweni, njengomntu ethetha nomhlobo wakhe, wabuyela kwaseminqubeni; ke umlungiseleli wakhe, uYoshuwa unyana kaNun, umfana, akasukanga yena ententeni leyo.
33:12b.EXO.033.012 Wathi uMoses kuYehova, Uyabona, uthi kum, Nyusa aba bantu; ke wena akundazisanga lowo uya kundithuma naye; kanti ke uthe, Ndikwazile ngegama, kananjalo ndikubabale.
33:13b.EXO.033.013 Ngoko ukuba undibabale, khawundazise indlela yakho, ukuze ndikwazi, ukuze undibabale, ukhumbule ukuba olu hlanga lungabantu bakho.
33:14b.EXO.033.014 Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.
33:15b.EXO.033.015 Wathi kuye, Ukuba ubuso bakho abuhambi nathi, musa ukusinyusa, simke apha.
33:16b.EXO.033.016 Kuya kwaziwa kwaziwe ngantoni na khona, ukuba undibabale mna nabantu bakho? Akungokuthi na uhambe nathi, sibaluleke thina, mna nabantu bakho, ebantwini bonke abaphezu komhlaba?
33:17b.EXO.033.017 Wathi uYehova kuMoses, Nale nto uyithethileyo ndiya kuyenza; kuba ndikubabale, ndikwazile ngegama.
33:18b.EXO.033.018 Wathi yena, Khawundibonise ubuqaqawuli bakho.
33:19b.EXO.033.019 Wathi, Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho, ndivakalise igama likaYehova phambi kwakho, ndibabale endimbabalayo, ndisikwe yimfesane kondosikwa yimfesane ngaye.
33:20b.EXO.033.020 Wathi, Akunakububona ubuso bam; kuba akukho mntu undibona aphile.
33:21b.EXO.033.021 Wathi uYehova, Nantsi ke indawo ngakum; uze ume phezu kweliwa;
33:22b.EXO.033.022 kuthi, ekudluleni kobuqaqawuli bam, ndikubeke emqhokrweni weliwa, ndikugubungele ngesandla sam, ndide ndidlule;
33:23b.EXO.033.023 ndize ndisuse isandla sam, uwubone umva wam. Ke bona ubuso bam abuyi kubonwa.
34
34:1b.EXO.034.001 Wathi uYehova kuMoses, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abesemacwecweni okuqala owawaqhekezayo;
34:2b.EXO.034.002 ulunge kusasa, unyuke kusasa, uye entabeni yaseSinayi, ume ngakum khona encotsheni yentaba.
34:3b.EXO.034.003 Kuze kunganyuki mntu nawe, kuze kungabonwa mntu kuyo yonke intaba, kuze kungadli mpahla imfutshane nankomo, isingise entabeni leyo.
34:4b.EXO.034.004 Wawaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala. Wavuka uMoses kusasa, wenyuka waya entabeni yaseSinayi, njengoko uYehova wamwisela umthetho ngako, waphatha esandleni sakhe amacwecwe amatye omabini.
34:5b.EXO.034.005 Wehla uYehova esefini, wema khona naye, wavakalisa igama likaYehova.
34:6b.EXO.034.006 UYehova wadlula ebusweni bakhe, wavakalisa esithi, UYehova, uYehova, uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso;
34:7b.EXO.034.007 olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesono; ongakhe amenze msulwa onetyala, obuvelelayo ubugwenxa booyise koonyana, nakoonyana boonyana kwesesithathu nakwesesine isizukulwana!
34:8b.EXO.034.008 Wakhawuleza uMoses, wathoba emhlabeni, waqubuda kuye.
34:9b.EXO.034.009 Wathi, Ukuba undibabale, Nkosi yam, mayihambe phakathi kwethu iNkosi yam; kuba bengabantu abantamo ilukhuni. Xolela ubugwenxa bethu nesono sethu, usenze ilifa lakho.
34:10b.EXO.034.010 Wathi, Yabona, ndenza umnqophiso; ndiya kwenza imisebenzi ebalulekileyo, engazanga idalwe ehlabathini lonke nasezintlangeni zonke, phambi kwabantu bonke bakowenu; bonke abantu ophakathi kwabo wena bowubona umsebenzi kaYehova; ngokuba yinto eyoyikekayo eniya kuyenza kuwe.
34:11b.EXO.034.011 Kugcine oko ndikuwisela umthetho ngako namhla. Yabona, ndigxotha ebusweni bakho ama-Amori, namaKanan, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.
34:12b.EXO.034.012 Zigcine, hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe ungena kulo; hleze babe ngumgibe phakathi kwakho.
34:13b.EXO.034.013 Nozidiliza izibingelelo zabo, niziqhekeze izimiso zabo zamatye, nibagawule ooAshera babo.
34:14b.EXO.034.014 Kuba akusayi kungqula thixo wumbi; kuba uYehova nguKhwele, igama lakhe, nguThixo onekhwele;
34:15b.EXO.034.015 hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe, baze bahenyuze ngokulandela oothixo babo, babingelele koothixo babo, bakubize udle umbingelelo wabo;
34:16b.EXO.034.016 uzekele oonyana bakho ezintombini zabo, zize iintombi zabo zihenyuze ngokulandela oothixo babo, zibenyuzise noonyana bakho, ngokubalandelisa oothixo babo.
34:17b.EXO.034.017 Uze ungazenzeli oothixo abatyhidiweyo.
34:18b.EXO.034.018 Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine. Iintsuku ezisixhenxe wodla izonka ezingenagwele, njengoko ndakuwisela umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma eYiputa ngenyanga enguAbhibhi.
34:19b.EXO.034.019 Yonke into evula isizalo yeyam, nemfuyo yakho yonke evula isizalo engamaduna, nokuba yinkomo, nokuba yimvu;
34:20b.EXO.034.020 ke lona izibulo le-esile wolikhulula ngokulimisela ngexhwane; ukuba akuthanga ulikhulule ngokulimisela, wolaphula intamo. Bonke oonyana bakho bamazibulo uze ubakhulule ngokubamisela; mabangabonakali phambi kwam bengaphethe lutho.
34:21b.EXO.034.021 Wosebenza imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe uze uphumle, uphumle ekulimeni nasekuvuneni.
34:22b.EXO.034.022 Uze uwenze umthendeleko weeveki, wentlahlela yokuvunwa kwengqolowa; nomthendeleko wokuhlanganisela ukutya emakhaya ekupheleni komnyaka.
34:23b.EXO.034.023 Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, yonke into engamadoda yakowenu yobonakala ebusweni beNkosi uYehova, uThixo kaSirayeli.
34:24b.EXO.034.024 Kuba ndiya kuzigqogqa iintlanga phambi kwakho, ndiwenze banzi umda wakho, linganqwenelwa nangubani ilizwe lakho, ekunyukeni kwakho usiya kubonakala ebusweni bukaYehova uThixo wakho, izihlandlo ezithathu ngomnyaka.
34:25b.EXO.034.025 Igazi lombingelelo wam uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele; nombingelelo womthendeleko wepasika uze ungahlali kude kuse.
34:26b.EXO.034.026 Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyise endlwini kaYehova uThixo wakho. Uze ungalipheki itakane ngobisi lukanina.
34:27b.EXO.034.027 Wathi uYehova kuMoses, Wabhale la mazwi; kuba ndenze ngokuthetha kwala mazwi umnqophiso nawe noSirayeli.
34:28b.EXO.034.028 Waye ekhona ke enoYehova iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; akadla sonka, akasela manzi. Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso, la mazwi alishumi.
34:29b.EXO.034.029 Kwathi, ekuhleni kukaMoses entabeni yaseSinayi, amacwecwe omabini esingqino esesandleni sikaMoses ekuhleni kwakhe entabeni, akazi uMoses, ukuba ulusu lobuso bakhe belukhazimla ekuthetheni kwakhe naye.
34:30b.EXO.034.030 UAron noonyana bonke bakaSirayeli bambona uMoses. Yini? Ulusu lobuso bakhe luyakhazimla; boyika ukusondela kuye.
34:31b.EXO.034.031 Wababiza uMoses, babuyela kuye uAron nezikhulu zonke zebandla, wathetha nazo uMoses.
34:32b.EXO.034.032 Emveni koko basondela bonke oonyana bakaSirayeli, wabawisela umthetho wako konke abekuthethile uYehova kuye entabeni yaseSinayi.
34:33b.EXO.034.033 Wagqiba uMoses ukuthetha nabo, wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe.
34:34b.EXO.034.034 Ekungeneni kukaMoses phambi koYehova, esiya kuthetha naye, wasisusa isigqubuthelo, wada waphuma. Waphuma, wathetha koonyana bakaSirayeli oko abemwisele umthetho ngako.
34:35b.EXO.034.035 Babubona oonyana bakaSirayeli ubuso bukaMoses, ukuba ulusu lobuso bukaMoses luyakhazimla. Wabuya wasibeka uMoses isigqubuthelo ebusweni bakhe, wada wangena, waya kuthetha naye.
35
35:1b.EXO.035.001 Walibizela ndawonye uMoses lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, wathi kubo, Zizo ezi iindawo uYehova aniwisele umthetho ngazo, ukuba nizenze.
35:2b.EXO.035.002 Wosebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe woba yingcwele kuni, isabatha kasabatha kuYehova; bonke abenza umsebenzi ngayo bobulawa.
35:3b.EXO.035.003 Ize ningaphembi mlilo ezindlwini zenu zonke ngomhla wesabatha.
35:4b.EXO.035.004 Wathetha uMoses kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, wathi, Yiyo le indawo ayiwisele umthetho uYehova:
35:5b.EXO.035.005 uthi, Thabathani phakathi kwenu, nise umrhumo kuYehova; bonke abantliziyo zibaqhubayo mabazise umrhumo kaYehova: igolide, nesilivere, nobhedu;
35:6b.EXO.035.006 nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;
35:7b.EXO.035.007 nezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi; nemingampunzi;
35:8b.EXO.035.008 neoli yesiphatho sezibane, nobulawu beoli yokuthambisa, nobesiqhumiso esimnandi;
35:9b.EXO.035.009 namatye ebherilo, namatye okufakwa e-efodini naselubengweni.
35:10b.EXO.035.010 Bonke benentliziyo elumkileyo kuni mabeze, benze zonke izinto uYehova awise umthetho ngazo:
35:11b.EXO.035.011 umnquba nentente yawo, nesigubungelo sayo, amagwegwe ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo;
35:12b.EXO.035.012 ityeya nezibonda zayo, isihlalo sokucamagusha, nomkhusane wokusithelisa;
35:13b.EXO.035.013 itafile nezibonda zayo, neempahla zayo zonke, nezonka zokubonisa;
35:14b.EXO.035.014 isiphatho sezibane zokukhanyisa, nempahla yaso, nezibane zaso, neoli yokukhanyisa;
35:15b.EXO.035.015 isibingelelo sokuqhumisela nezibonda zaso, neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi, nesisitheliso somnyango emnyango womnquba;
35:16b.EXO.035.016 isibingelelo sedini elinyukayo, nothango lwaso lobhedu, nezibonda zaso, neempahla zaso zonke; nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;
35:17b.EXO.035.017 amawunduwundu entendelezo, neentsika zayo, neziseko zayo, nesisitheliso somnyango wentendelezo;
35:18b.EXO.035.018 izikhonkwane zomnquba, nezikhonkwane zentendelezo, nezintya zazo;
35:19b.EXO.035.019 izambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela.
35:20b.EXO.035.020 Lemka ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli phambi koMoses.
35:21b.EXO.035.021 Beza bonke abantu abantliziyo yabavuselelayo, abo bonke bamoya wabaqhubayo, bawuzisa umrhumo kaYehova emsebenzini wentente yokuhlangana, nasenkonzweni yayo yonke, nasezambathweni ezingcwele.
35:22b.EXO.035.022 Beza, amadoda kwanabafazi, bonke abantliziyo zibaqhubayo, bezisa izacholo, namajikazi, nemisesane, nezidanga, yonke impahla yegolide; bonke abantu ababetshangatshangise kuYehova umtshangatshangiso wegolide, bawuzisa.
35:23b.EXO.035.023 Bonke abantu abafunyanwa benemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya bebhokhwe, nezintsu zeenkunzi zezimvu zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi, bazizisa.
35:24b.EXO.035.024 Bonke abarhuma umrhumo wesilivere, nowobhedu, bawuzisa umrhumo kaYehova; bonke abafunyanwa benemingampunzi yomsebenzi wonke wenkonzo, bayizisa.
35:25b.EXO.035.025 Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo basonta ngezandla zabo, bazizisa ezo nto zisontiweyo; imisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
35:26b.EXO.035.026 Abafazi bonke, abantliziyo yabavuselelayo ngobulumko, basonta uboya beebhokhwe.
35:27b.EXO.035.027 Izikhulu zazisa amatye ebherilo, namatye okufakwa e-efodini naselubengweni, nobulawu,
35:28b.EXO.035.028 neoli yesiphatho sezibane, neyamafutha okuthambisa, neyesiqhumiso esimnandi.
35:29b.EXO.035.029 Oonyana bakaSirayeli bazisa ke kuYehova umnikelo wokuqhutywa yintliziyo; nawo onke amadoda nabafazi bonke bantliziyo zabaqhubayo ukuyizisela yonke imisebenzi awawisa umthetho uYehova ngesandla sikaMoses, ukuba yenziwe.
35:30b.EXO.035.030 Wathi uMoses koonyana bakaSirayeli, Khangelani, UYehova umbize ngegama uBhetsaleli, unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda.
35:31b.EXO.035.031 Umzalisile ngoMoya kaThixo, ngobulumko, nangengqondo, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke,
35:32b.EXO.035.032 ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu;
35:33b.EXO.035.033 nangokukrola amatye, awafake; nangokukrola imithi, asebenze imisebenzi yonke ngentelekelelo.
35:34b.EXO.035.034 Ubeke entliziyweni yakhe ukuyala, yena ke kwanoAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan.
35:35b.EXO.035.035 Ubazalise ngobulumko bentliziyo, ukuba benze umsebenzi wonke wokukrola, nowokuluka, ukuluka imfakamfele, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, neyomluki, babe ngabenzi bomsebenzi wonke, nabathelekeleli bokuyila.
36
36:1b.EXO.036.001 Bosebenza ke ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awanikeleyo uYehova ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukusebenza yonke imisebenzi yenkonzo yengcwele, nento yonke abewise umthetho ngayo uYehova.
36:2b.EXO.036.002 UMoses wabiza ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, antliziyo uYehova wazinikayo ubulumko, onke antliziyo yawavuselelayo ukusondela emsebenzini, ukuba awenze.
36:3b.EXO.036.003 Bathabatha, ebusweni bukaMoses, yonke imirhumo ababeyizisile oonyana bakaSirayeli emsebenzini wenkonzo yengcwele ukuba yenziwe. Baye bona bezisa kuye imiso ngemiso iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.
36:4b.EXO.036.004 Zeza ke zonke izilumko ezibe ziyisebenza yonke imisebenzi yengcwele, saseso savela emsebenzini waso esibe siwusebenza;
36:5b.EXO.036.005 zatsho kuMoses ukuthi, Abantu bazisa ngaphezulu kakhulu kokwanele ukusetyenzwa komsebenzi, awise umthetho ngawo uYehova ukuba wenziwe.
36:6b.EXO.036.006 Wawisa umthetho uMoses, ukuba kuhanjiswe ilizwi eminqubeni, lisithi, Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa.
36:7b.EXO.036.007 Impahla yazanela izinto zonke, emisebenzini yonke, ukubabayenze, yada yasala.
36:8b.EXO.036.008 Bonke abantliziyo zilungileyo, phakathi kwabenza imisebenzi, bawenza umnquba, amalengalenga aba lishumi, ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, benza iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka.
36:9b.EXO.036.009 Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite ezine, amalengalenga alingana onke.
36:10b.EXO.036.010 Bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye; bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye.
36:11b.EXO.036.011 Benza amasango ngemisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni ekuhlanganeni; benjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.
36:12b.EXO.036.012 Benza amasango aba mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga, benza namasango aba mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini; amasango alungelelana, elinye nelinye.
36:13b.EXO.036.013 Benza amagwegwe egolide aba mashumi mahlanu; bawahlanganisa amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, waba mnquba mnye.
36:14b.EXO.036.014 Benza amalengalenga ngoboya beebhokhwe, aba yintente phezu komnquba; bawenza amalengalenga alishumi elinalinye.
36:15b.EXO.036.015 Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mathathu, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite ezine; loo malengalenga alishumi elinalinye alingana.
36:16b.EXO.036.016 Bawahlanganisa amalengalenga amahlanu odwa, namalengalenga omathandathu odwa.
36:17b.EXO.036.017 Benza amasango amashumi mahlanu emphethweni welengalenga eli lokugqibela ekuhlanganeni, benza namasango amashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga, elihlanganiswe nelinye.
36:18b.EXO.036.018 Benza amagwegwe obhedu amashumi mahlanu, ukuba ihlanganiswe intente, ibe nye.
36:19b.EXO.036.019 Bayenzela intente isigubungelo ngezintsu zeekunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi ngaphezulu kweso.
36:20b.EXO.036.020 Umnquba bawenzela iiplanga ngomngampunzi, zema.
36:21b.EXO.036.021 Ubude beplanga baba ziikubhite ezilishumi, ububanzi beplanga inye baba yikubhite enesiqingatha.
36:22b.EXO.036.022 Iplanga inye yaneempondlo ezimbini, zahlangana olunye nolunye; benjenjalo eziplangeni zonke zomnquba.
36:23b.EXO.036.023 Bazenza ke iiplanga zomnquba; zamashumi mabini iiplanga ngecala lasezantsi ngasezantsi.
36:24b.EXO.036.024 Benza iziseko zesilivere zamashumi mane phantsi kweeplanga ezimashumi mabini; zazibini iziseko zeempondlo zayo zombini, phantsi kweplanga inye; zazibini iziseko zeempondlo zayo zombini, phantsi kweplanga inye.
36:25b.EXO.036.025 Ezecala lesibini lomnquba, ngelasentla icala, benza iiplanga ezimashumi mabini,
36:26b.EXO.036.026 neziseko zazo zesilivere zamashumi mane: iziseko zazibini phantsi kweplanga inye, zazibini iziseko phantsi kweplanga inye.
36:27b.EXO.036.027 Ezomva womnquba ngasentshonalanga bazenza zantandathu iiplanga.
36:28b.EXO.036.028 Iiplanga ezimbini bazenza iimbombo zomnquba ngamacala, emaphundwini omabini,
36:29b.EXO.036.029 zangamawele, zithabathela ezantsi ukuhlangana, zaba nto-nye kwada kwasa entloko, zaya khonkcweni linye; benjenjalo kuwo omabini angaweembombo zombini.
36:30b.EXO.036.030 Zaba ziiplanga ezisibhozo; neziseko zazo zesilivere zaziziseko ezilishumi elinazithandathu: zazibini iziseko, zazibini iziseko, phantsi kweplanga inye.
36:31b.EXO.036.031 Benza imivalo ngomngampunzi; yamihlanu eziplangeni zelinye icala lomnquba,
36:32b.EXO.036.032 yamihlanu imivalo eziplangeni zelesibini icala lomnquba; yamihlanu imivalo eziplangeni zomnquba ephundwini, ngasentshonalanga.
36:33b.EXO.036.033 Benza umvalo othe gabhu phakathi eziplangeni ezo, wavala, usuka ekupheleni waya ekupheleni.
36:34b.EXO.036.034 Bazaleka iiplanga ngegolide; amakhonkco azo bawenza ngegolide, azindawo zemivalo; ke imivalo bayaleka ngegolide.
36:35b.EXO.036.035 Benza umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; bawenzela iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka ke lowo.
36:36b.EXO.036.036 Bawenzela iintsika ezine zomngampunzi ezalekwe ngegolide, namagwegwe azo egolide; bazityhidela iziseko zozine zesilivere.
36:37b.EXO.036.037 Umnyango wentente bawenzela isisitheliso ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki;
36:38b.EXO.036.038 neentsika zaso zantlanu, namagwegwe azo, bazaleka iintloko zazo neminqiwu yazo ngegolide, neziseko zazo zozihlanu zazezobhedu.
37
37:1b.EXO.037.001 UBhetsaleli wayenza ityeya ngomngampunzi. Ubude bayo baba ziikubhite zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo baba yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kwayikubhite enesiqingatha.
37:2b.EXO.037.002 Wayaleka ngegolide ecocekileyo ngaphakathi nangaphandle, wayithi jize ngesithsaba segolide.
37:3b.EXO.037.003 Wayityhidela amakhonkco egolide amane, emilenzeni yayo yomine: amakhonkco amabini ngeli icala, amakhonco amabini ngeliya icala.
37:4b.EXO.037.004 Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngegolide;
37:5b.EXO.037.005 wazifaka izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ukuba ithwalwe ngazo.
37:6b.EXO.037.006 Wenza isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso baba ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso baba yikubhite enesiqingatha.
37:7b.EXO.037.007 Wenza iikerubhi zambini ngegolide, ukuzenza wazikhanda; zavela eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha:
37:8b.EXO.037.008 enye ikerubhi ivele esiphelweni esi, enye ikerubhi ivele esiphelweni esiya. Wazenza iikerubhi esihlalweni sokucamagusha, zavela eziphelweni zaso zozibini.
37:9b.EXO.037.009 Iikerubhi zolula amaphiko phezulu, zasisithelisa ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha; ubuso bazo bakhangelana, babheka esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi.
37:10b.EXO.037.010 Wenza netafile ngomngampunzi; ubude bayo baba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo baba yikubhite, ukuphakama kwayo kwaba yikubhite enesiqingatha.
37:11b.EXO.037.011 Wayaleka ngegolide ecocekileyo, wayithi jize ngesithsaba segolide.
37:12b.EXO.037.012 Wayenzela ngeenxa zonke udini olungangobubanzi besandla, udini lwayo waluthi jize ngesithsaba segolide.
37:13b.EXO.037.013 Wayityhidela amakhonkco egolide amane, wawafaka amakhonkco ezimbombeni zone ezisemilenzeni yayo yomine.
37:14b.EXO.037.014 Aba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, aba ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile.
37:15b.EXO.037.015 Wenza izibonda ezo ngomngampunzi, wazaleka ngegolide, ukuba ithwalwe ngazo itafile.
37:16b.EXO.037.016 Wenza impahla ephezu kwetafile, izikotile zayo, nemicephe yayo, neenkamba zayo, neendebe zayo ekwakuthululwa ngazo, wazenza ngegolide ecocekileyo.
37:17b.EXO.037.017 Wenza nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza wasikhanda isiphatho eso, nesikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso, zivele kwakuso.
37:18b.EXO.037.018 Amasebe amathandathu avela emacaleni aso: amasebe amathathu esiphatho avela kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avela kweliya icala laso.
37:19b.EXO.037.019 Zaba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile kweli isebe, zineqhina nentyantyambo; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile zaba kweliya isebe, zineqhina nentyantyambo. Kwaba njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.
37:20b.EXO.037.020 Zaba ne iindebe esiphathweni ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso.
37:21b.EXO.037.021 Yaba liqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, yaliqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, yaliqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, angawamasebe amathandathu avela kuso.
37:22b.EXO.037.022 Amaqhina awo namalungu awo avela kuso sonke, saba ngumkhando wamnye wegolide ecocekileyo.
37:23b.EXO.037.023 Wenza izibane zaso zasixhenxe, nezifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo.
37:24b.EXO.037.024 Wasenza ngetalente yegolide ecocekileyo, neempahla zaso zonke.
37:25b.EXO.037.025 Wenza nesibingelelo sokuqhumisela ngomngampunzi. Ubude baso baba yikubhite, ububanzi baso baba yikubhite, saba mbombo-ne; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezimbini; zaphuma kuso iimpondo zaso.
37:26b.EXO.037.026 Wasaleka ngegolide ecocekileyo umphezulu waso, namacala aso ngeenxa zonke, neempondo zaso, wasithi jize ngesithsaba segolide.
37:27b.EXO.037.027 Wasenzela amakhonkco amabini ngegolide, phantsi kwesithsaba saso ezimbombeni zaso ezimbini, emacaleni aso omabini, aziindawo zezibonda ukuba sithwalwe ngazo.
37:28b.EXO.037.028 Wazenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngegolide.
37:29b.EXO.037.029 Wenza neoli engcwele yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi esingangxengelelweyo, umsebenzi womqholi ke lowo.
38
38:1b.EXO.038.001 Wasenza nesibingelelo sedini elinyukayo ngomngampunzi: ubude baso baba ziikubhite ezintlanu, ububanzi baso baba ziikubhite ezintlanu, sambombo-ne; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezintathu.
38:2b.EXO.038.002 Wenza iimpondo zaso ezimbombeni zaso, zaphuma kuso iimpondo zaso, wasaleka ngobhedu.
38:3b.EXO.038.003 Wazenza zonke iimpahla zesibingelelo eso: iinkamba, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neefolokhwe, neengcedevu; zonke iimpahla zaso wazenza ngobhedu.
38:4b.EXO.038.004 Isibingelelo wasenzela uthango, umsebenzi ongumnatha, ngobhedu, phantsi kongqameko olujikelezileyo, lwathabathela ezantsi, lwathi gabhu phakathi.
38:5b.EXO.038.005 Wawatyhida amakhonkco amane eziphelweni zozine zothango lobhedu, aba ziindawo zezibonda.
38:6b.EXO.038.006 Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngobhedu.
38:7b.EXO.038.007 Wazifaka izibonda emakhonkcweni, emacaleni esibingelelo, ukuba sithwalwe ngazo; wasenza ngeeplanga saholoholo.
38:8b.EXO.038.008 Wenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, nezipili zabafazi, ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.
38:9b.EXO.038.009 Wenza intendelezo kwelasezantsi icala, ngasezantsi, yaba ngamawunduwundu entendelezo, elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, iikubhite ezilikhulu.
38:10b.EXO.038.010 Iintsika zawo zaba mashumi mabini, neziseko zazo zaba mashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
38:11b.EXO.038.011 Ngecala lasentla amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu; iintsika zawo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
38:12b.EXO.038.012 Ngecala lasentshonalanga amawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu; iintsika zawo zalishumi, neziseko zazo zalishumi; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
38:13b.EXO.038.013 Ngecala lempumalanga ngasempumalanga aziikubhite ezimashumi mahlanu.
38:14b.EXO.038.014 Amawunduwundu asingisa kwelinye icala lesango aziikubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zantathu, neziseko zazo zazithathu.
38:15b.EXO.038.015 Ngelinye icala lesango lentendelezo, ngapha nangapha, aba ngamawunduwundu eekubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zantathu, neziseko zazo zazithathu.
38:16b.EXO.038.016 Onke amawunduwundu entendelezo ajikelezileyo aba ngawelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
38:17b.EXO.038.017 Iziseko zeentsika zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere, nokwalekwa kwamantloko azo kwayisilivere; iminqiwu yeentsika zonke zentendelezo yayeyesilivere.
38:18b.EXO.038.018 Isitheliso sesango lentendelezo sasingumsebenzi oyimfakamfele womluki, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; ubude baba ziikubhite ezimashumi mabini, ukuphakama ebubanzini kwaba ziikubhite ezintlanu; kwalungelelana namawunduwundu entendelezo.
38:19b.EXO.038.019 Iintsika zawo zone neziseko zazo zozine zaba zezobhedu; amagwegwe azo aba ngawesilivere, nokwalekwa kwamantloko azo neminqiwu yazo kwayisilivere.
38:20b.EXO.038.020 Zonke izikhonkwane zomnquba nezentendelezo ejikelezileyo zazezobhedu.
38:21b.EXO.038.021 Ngawo la amanani ezinto zomnquba, zomnquba wesingqino, abebalwa ngomlomo kaMoses ngenkonzo yabaLevi, ngesandla sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
38:22b.EXO.038.022 UBhetsaleli, unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda, wakwenza konke uYehova abemwisele umthetho ngako uMoses.
38:23b.EXO.038.023 Waye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan, engumkroli, ingcibi, umluki weemfakamfele ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
38:24b.EXO.038.024 Ke yonke igolide ekwakusetyenzwa ngayo umsebenzi emisebenzini yonke yengcwele, igolide yomtshangatshangiso, yaye iziitalente ezimashumi mabini anesithoba, neeshekele ezimakhulu asixhenxe anamanci mathathu, ngokweshekele yengcwele.
38:25b.EXO.038.025 Ke isilivere yabo babalwayo bebandla yaba likhulu leetalente neeshekele eziliwaka elinamakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anantlanu, ngokweshekele yengcwele.
38:26b.EXO.038.026 Yaba yibheka ngentloko yomntu (isiqingatha seshekele leyo, ngokweshekele yengcwele), kubo bonke abagqithelayo kwabo babalwayo; bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, nangaphezulu, kubo abangamawaka angamakhulu omathandathu anamawaka amathathu, anamakhulu amahlanu anamanci mahlanu.
38:27b.EXO.038.027 Ngeetalente zesilivere ezilikhulu kwatyhidwa iziseko zengcwele neziseko zomkhusane; yalikhulu leziseko kwikhulu leetalente, yayitalente kwisiseko.
38:28b.EXO.038.028 Ngeeshekele eziliwaka elinamakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anantlanu, wenza amagwegwe eentsika, wawaleka amantloko azo, wenza iminqiwu.
38:29b.EXO.038.029 Ubhedu olungumtshangatshangiso lwaye luziitalente ezingamashumi osixhenxe, neeshekele ezingamawaka amabini anamakhulu mane.
38:30b.EXO.038.030 Wenza ngalo iziseko zomnyango wentente yokuhlangana, nesibingelelo sobhedu, nothango lwaso lobhedu, nempahla yonke yesibingelelo;
38:31b.EXO.038.031 neziseko zentendelezo ejikelezileyo, neziseko zesango lentendelezo, nezikhonkwane zonke zomnquba, nezikhonkwane zonke zentendelezo ejikelezileyo.
39
39:1b.EXO.039.001 Ngemisonto emsi nemfusa nebomvu benza izambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni; benza nezambatho ezingcwele zika-Aron, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
39:2b.EXO.039.002 Iefodi wayenza ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
39:3b.EXO.039.003 Bayikhanda igolide yaba zizixwexwe ezicekethekileyo, bancwela imityana, ukuze bayixube emisontweni emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, umsebenzi wengcibi yokuluka ke lowo.
39:4b.EXO.039.004 Iefodi bayenzela iziziba zamagxa zokuyixakatha, yaxakathwa emiphethweni yomibini;
39:5b.EXO.039.005 nombhinqo ophezu kwayo wokuyinxiba iefodi, ophuma kuyo, wawunjengokusetyenzwa kwayo; bawenza ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
39:6b.EXO.039.006 Benza amatye ebherilo, abhijelwe ngomluko wegolide, akrolwa ngokukrolwa kwemisesane yokutywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli;
39:7b.EXO.039.007 wawabeka ezizibeni zamagxa ze-efodi, aba ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
39:8b.EXO.039.008 Walwenza ubengo, lwaba ngumsebenzi wengcibi yokuluka, njengokwenziwa kwe-efodi, ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
39:9b.EXO.039.009 Lwaba mbombo-ne, lwaphindwa, balwenza ubengo; ubuda balo baba ngangokolulwa kweminwe, ububanzi balo baba ngangokolulwa kweminwe luphindiwe.
39:10b.EXO.039.010 Bafaka kulo imikrozo yamine yamatye; ukrozo lwesardiyo, netopazi, nesmarado, lwaba lukrozo lokuqala olo;
39:11b.EXO.039.011 ukrozo lwesibini lwaba yirubhi, nesafire, nekalikedo;
39:12b.EXO.039.012 ukrozo lwesithathu lwaba yihakinto, neagati, neametiste;
39:13b.EXO.039.013 ukrozo lwesine lwaba yikrizolite, nebherilo, neyaspisi; abhijelwa ngomluko wegolide ezimfakweni zawo.
39:14b.EXO.039.014 Amatye lawo amiswa ngokwamagama oonyana bakaSirayeli abalishumi elinababini, ngokwamagama abo; aba nokrolo lomsesane wokutywina, lathi elo laba negama lalo, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini.
39:15b.EXO.039.015 Benza elubengweni intsontelo ethe shinyi, umsebenzi osontiweyo ngegolide ecocekileyo.
39:16b.EXO.039.016 Benza imiluko yamibini ngegolide, namakhonkco amabini ngegolide, bawafaka loo makhonkco mabini emancamini omabini obengo.
39:17b.EXO.039.017 Bazifaka iintsontelo zombini zegolide emakhonkcweni omabini asemancamini obengo;
39:18b.EXO.039.018 namancam omabini eentsontelo zombini bawafaka emilukweni yomibini, bayifaka ezizibeni zamagxa ze-efodi, ngaphambili.
39:19b.EXO.039.019 Benza amakhonkco amabini ngegolide, bawafaka emancamini omabini obengo, emphethweni walo okwicala elikhangelene ne-efodi, elibheke ngaphakathi.
39:20b.EXO.039.020 Benza amanye amakhonkco amabini ngegolide, bawafaka ezizibeni zamagxa zozibini ze-efodi ngaphantsi, mayela nomphambili wayo, kufuphi nokuhlangana kwayo, entla kombhinqo we-efodi.
39:21b.EXO.039.021 Balunxibelela ubengo ngamakhonkco alo, emakhonkcweni e-efodini, ngentsontelo yemisonto emsi, lwaba sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungasuki ubengo kuyo iefodi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
39:22b.EXO.039.022 Benza ingubo yokwaleka ye-efodi, umsebenzi womluki, yonke ngemisonto emsi.
39:23b.EXO.039.023 Umqala wengubo yokwaleka waba sesazulwini sayo, njengomqala wesigcina-sifuba; waba nomphetho owujikelezileyo umqala, ukuze ungakrazuki.
39:24b.EXO.039.024 Benza emqukumbelweni wengubo yokwaleka iirharnate ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ephothiweyo.
39:25b.EXO.039.025 Benza namankenteza egolide ecocekileyo, bawabeka amankenteza phakathi kweerharnate emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza phakathi kweerharnate:
39:26b.EXO.039.026 yaba linkenteza nerharnate, inkenteza nerharnate, emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza; ukuba kulungiselelwe njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
39:27b.EXO.039.027 Benza iingubo zangaphantsi ngelinen ecikizekileyo, umsebenzi womluki, ukuba zibe zezika-Aron noonyana bakhe;
39:28b.EXO.039.028 nonkontsho, ngelinen ecikizekileyo; neminqwazi yokuhomba, ngelinen ecikizekileyo; neebhulukhwe, ngelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, emhlophe;
39:29b.EXO.039.029 nombhinqo, ngelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, umsebenzi oyimfakamfele womluki, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
39:30b.EXO.039.030 Benza nembasa, isithsaba esingcwele segolide ecocekileyo, babhala phezu kwayo umbhalo ngokrolo lomsesane wokutywina, othi, ingcwele kuYehova.
39:31b.EXO.039.031 Bayifaka umtya wemisonto emsi, yanxitywa elunkontshweni phezulu, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
39:32b.EXO.039.032 Wagqitywa ke wonke umsebenzi womnquba wentente yokuhlangana. Benza oonyana bakaSirayeli njengako konke uYehova ebemwisele umthetho ngako uMoses, benjenjalo.
39:33b.EXO.039.033 Bawuzisa umnquba kuMoses: intente nempahla yayo yonke, amakhonkco ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo;
39:34b.EXO.039.034 nesigubungelo sezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, nomkhusane osithelisayo;
39:35b.EXO.039.035 netyeya yesingqino, nezibonda zayo, nesihlalo sokucamagusha;
39:36b.EXO.039.036 netafile, neempahla zayo zonke, nezonka zokubonisa;
39:37b.EXO.039.037 nesiphatho sezibane esihle, nezibane zaso, izibane ezicwangcisiweyo, nempahla yaso yonke, neoli yokukhanyisa;
39:38b.EXO.039.038 nesibingelelo segolide, neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi, nesisitheliso sokusithelisa umnyango wentente;
39:39b.EXO.039.039 nesibingelelo sobhedu, nothango lwaso lobhedu, izibonda zaso, nempahla yaso yonke; uhehema lwesitya sokuhlambela noseko lwalo;
39:40b.EXO.039.040 namawunduwundu entendelezo, neentsika zayo, neziseko zayo, nesisitheliso sesango lentendelezo, nemitya yayo, nezikhonkwane zayo, nempahla yonke yenkonzo yomnquba, yentente yokuhlangana;
39:41b.EXO.039.041 nezambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni; nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela.
39:42b.EXO.039.042 Njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, bawenjalo oonyana bakaSirayeli wonke umsebenzi.
39:43b.EXO.039.043 Wawukhangela uMoses wonke umsebenzi, nango ke bewenzile; njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako, bawenjenjalo. Wabasikelela ke uMoses.
40
40:1b.EXO.040.001 Wathetha uYehova kuMoses wathi, Ngenyanga yokuqala, ngolokuqala usuku enyangeni leyo,
40:2b.EXO.040.002 uze uwumise umnquba wentente yokuhlangana; ubeke khona ityeya yesingqino,
40:3b.EXO.040.003 uyisithelise ityeya ngomkhusane;
40:4b.EXO.040.004 ungenise itafile, uzicwangcise izinto zayo ezicwangciswayo; ungenise isiphatho sezibane, uzimise izibane zaso;
40:5b.EXO.040.005 usimise isibingelelo segolide sokuqhumisela phambi kwetyeya yesingqino, usixhome isisitheliso somnyango emnqubeni;
40:6b.EXO.040.006 usimise isibingelelo sedini elinyukayo phambi komnyango womnquba wentente yokuhlangana;
40:7b.EXO.040.007 ulumise uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kulo.
40:8b.EXO.040.008 Uze uyimise intendelezo ijikeleze, usixhome isisitheliso sesango lentendelezo.
40:9b.EXO.040.009 Uze uthabathe ioli yokuthambisa, uthambise umnquba neento zonke ezikuwo, uwungcwalise nempahla yawo yonke, ube yingcwele;
40:10b.EXO.040.010 uthambise isibingelelo sedini elinyukayo, nempahla yaso yonke, usingcwalise isibingelelo, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele;
40:11b.EXO.040.011 uthambise uhehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ulungcwalise.
40:12b.EXO.040.012 Uze usondeze uAron noonyana bakhe emnyango wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi;
40:13b.EXO.040.013 umnxibe uAron izambatho ezingcwele, umthambise, umngcwalise, ukuze abe ngumbingeleli kum.
40:14b.EXO.040.014 Wosondeza oonyana bakhe, ubanxibe iingubo zangaphantsi;
40:15b.EXO.040.015 ubathambise njengoko wamthambisayo uyise, ukuze babe ngababingeleli kum; kuthi ukuthanjiswa kwabo kube kokobubingeleli obungunaphakade kubo, kwizizukulwana zabo.
40:16b.EXO.040.016 Wenza ke uMoses; njengako konke uYehova abemwisele umthetho ngako, wenjenjalo.
40:17b.EXO.040.017 Kwathi, ngenyanga yokuqala ngomnyaka wesibini, ngolokuqala enyangeni leyo, wamiswa umnquba.
40:18b.EXO.040.018 Wawumisa ke uMoses umnquba, wazibeka iziseko zawo, wazimisa iiplanga zawo, wayifaka imivalo yawo, wazimisa iintsika zawo.
40:19b.EXO.040.019 Wayaneka intente phezu komnquba, wabeka isigubungelo sentente phezu kwayo phezulu, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
40:20b.EXO.040.020 Wasithabatha isingqino, wasibeka etyeyeni, wazifaka izibonda etyeyeni, wasibeka isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya phezulu.
40:21b.EXO.040.021 Wayingenisa ityeya emnqubeni, wawuxhoma umkhusane osithelisayo, wayisithelisa ityeya yesingqino, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
40:22b.EXO.040.022 Wayibeka itafile ententeni yokuhlangana, ngecala lomnquba elingasentla, nganeno komkhusane;
40:23b.EXO.040.023 wacwangcisa phezu kwayo ukucwangciswa kwezonka phambi koYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
40:24b.EXO.040.024 Wasimisa isiphatho sezibane ententeni yokuhlangana, sakhangelana netafile ngecala lomnquba elingasezantsi;
40:25b.EXO.040.025 wazimisa izibane phambi koYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
40:26b.EXO.040.026 Wasibeka isibingelelo segolide ententeni yokuhlangana, phambi komkhusane.
40:27b.EXO.040.027 Waqhumisela phezu kwaso ngesiqhumiso esimnandi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
40:28b.EXO.040.028 Wasixhoma isisitheliso somnyango emnqubeni.
40:29b.EXO.040.029 Wasibeka isibingelelo sedini elinyukayo emnyango womnquba wentente yokuhlangana; wanyusa kuso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
40:30b.EXO.040.030 Walubeka uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo eso, wagalela amanzi okuhlamba kulo.
40:31b.EXO.040.031 Bazihlamba ooMoses noAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo khona.
40:32b.EXO.040.032 Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, bahlamba, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
40:33b.EXO.040.033 Wayimisa intendelezo ejikeleza umnquba lo nesibingelelo esi, wasixhoma isisitheliso sesango lentendelezo. Wawugqiba ke uMoses umsebenzi.
40:34b.EXO.040.034 Ilifu layigubungela intente yokuhlangana, ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.
40:35b.EXO.040.035 UMoses akaba nakungena ententeni yokuhlangana, ngokuba ilifu lahlala phezu kwayo, ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.
40:36b.EXO.040.036 Belisithi lakunyuswa lisuswe ilifu emnqubeni, banduluke oonyana bakaSirayeli, benjenjalo ekundulukeni kwabo konke.
40:37b.EXO.040.037 Ke xa ilifu belingekanyuswa, bebenganduluki kude kube yimini yokunyuswa kwalo;
40:38b.EXO.040.038 kuba ilifu likaYehova beliba phezu komnquba emini, umlilo ube phezu kwawo ebusuku, phambi kwendlu yonke kaSirayeli, ekundulukeni kwabo konke.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Exodus (Xhosa). Exodus (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C379-4