1

UPetros, umpostile kaYesu Kristu, ubhalela abanyuliweyo abangabaphambukeli kwiintsali ezikwelasePonto, kwelaseGalati, kwelaseKapadoki, kwelaseAsiya, nakwelaseBhitini,
abanyuliweyo ngokokwazi kwenxa engaphambili kukaThixo uYise, ebungcweleni boMoya, kuse ekululameleni nasekufefweni kwegazi likaYesu Kristu: uthi, Makwandiswe kuni ubabalo noxolo.
Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, othe ngokobuninzi benceba yakhe, wasizala ngokutsha, ukuba sibe nethemba eliphilileyo ngokuvuka kukaYesu Kristu kwabafileyo;
sibe nelifa elingenakonakala, elingenakudyobheka, elingenakuguga, eniligcinelweyo emazulwini,
nina bathe ngamandla kaThixo ngokholo balondolozelwa elusindisweni, olulungiselwe ukutyhilwa ngexesha lokugqibela.
Enigcoba ngalo, nokuba nithe naba buhlungu umzuzwana ngoku, ukuba nimelwe kuko, phakathi kwezilingo ngezilingo;
ukuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.
Enithe, ningambonanga nje, namthanda; enithi ke nikholwa kuye, noko ngoku ningamboniyo, nigcobe ngovuyo olungathethekiyo, oluzukisiweyo;
nisamkela isiphelo sokholo lwenu, usindiso ke lwemiphefumlo yenu.
Usindiso abathe babuzisa, baphengulula kunene ngalo abaprofeti, ababeprofeta ngalo ubabalo olwamiselwa nina;
bephengulula ukuba wayesalatha xesha lini na, linjani na, uMoya kaKristu, awayezingqinela kubo ngenxa engaphambili iintlungu ezamiselwa uKristu, nozuko oluya kuzilandela.
Abatyhilelwayo ukuba abazilungiseleli bona ngokwabo; bazilungiselela thina ke, izinto enizityelweyo ngoku ngabo banishumayezayo iindaba ezilungileyo ngoMoya oyiNgcwele, owathunywa evela emazulwini; izinto ke ezo ezizinqwenelayo izithunywa zezulu ukuqondela kuzo.
Ngoko, bhinqani izinqe zengqondo yenu, ninobungcathu, niluthembe ngokugqibeleleyo ubabalo oluziswa kuni ekutyhilekeni kukaYesu Kristu;
ngokwabantwana bolulamo, ningamilisi okweenkanuko zangaphambili ekungazini kwenu;
nithi ke, ngokokwalowo ungcwele wanibizayo, nibe ngcwele nani ngokwenu kuyo yonke ihambo.
Ngenxa enokuba kubhaliwe kwathiwa, Yibani ngcwele, ngokuba ndingcwele mna.
Kanjalo, ukuba nimnqula ngokoYihlo, lowo ugweba ngokowalowo umsebenzi, engakhethi buso, lihlaleni ixesha lokuphambukela kwenu apha nizoyikela;
nisazi nje ukuba anihlawulelwanga nikhululwe ngazinto zinakonakala, oozisilivere noozigolide, kuyo ihambo yenu engento, enayinikelwayo ngooyihlo.
Kwakungegazi elinqabileyo likaKristu, njengelemvana engenasiphako, engenabala;
owaziwayo ngenxa engaphambili okunene, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, kodwa wabonakalaliswa ekugqibeleni kwamaxesha la ngenxa yenu, nina nikholwayo ngaye kuThixo,
owamvusayo kwabafileyo, wamzukisa, ngokokuze ukholo lwenu nethemba lenu libe kuThixo.
Niyenze nyulu nje imiphefumlo yenu ngokuyilulamela inyaniso ngoMoya, kuse ekuthandeni abazalwana okungenaluhanahaniso, thandanani ngenyameko, ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo;
nizelwe nje ngokutsha, kungengokwasembewini enokonakala, kungokwasembewini engenakonakala, ngelizwi likaThixo eliphilileyo, elihleliyo ngonaphakade.
Ngenxa enokuba Yonke inyama injengengca, Nabo bonke ubuqaqawuli bomntu bunjengentyantyambo yengca. Ingca iyoma, ivuthuluke nentyantyambo yayo;
Ke lona ilizwi leNkosi lihleli ngonaphakade. Elo ke leli lizwi lashunyayelwayo kuni ngeendaba ezilungileyo.

2

Ngoko, nilulahlile nje lonke ulunya, nayo yonke inkohliso, nokuhanahanisa, nomona, nako konke ukuthetha okubi, walangazeleleni,
ngokweentsana ezisandula ukuzalwa, amasi angawelizwi, angenankohliso, ukuze nikhule ngawo;
ukuba okunene nikuvile, ukuba iNkosi inobubele.
Nisiza nje kuyo, ililitye eliphilileyo, licekisiwe okunene ngabantu, kodwa linyuliwe nguThixo, linqabile:
nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu.
Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo; Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe.
Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo,
Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa, kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona.
Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso;
enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba.
Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo.
Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kulo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa.
Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yayo iNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo;
nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo.
Ngokuba ukuthanda kukaThixo kukuba nithi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintsweli-kuqonda;
nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakathixo.
Bekani abantu bonke. Thandani isizalwana. UThixo moyikeni. Ukumkani mbekeni.
Nina zicaka, bathobeleni ninako konke ukoyika abanikhonzisayo, ingabi ngabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa.
Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa.
Kuba kuya kuba ludumo luni na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo.
Kuba nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe:
ongenzanga sono, ekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wakhe;
obesithi, etshabhiswa, angaphindezeli atshabhise, athi esiva ubunzima, angaphindezeli asongele; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngokobulungisa;
owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; omivumbo yakhe naphiliswa ngayo.
Kuba beninjengezimvu zilahlekile, koko nisuke ngoku nabuyela kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu.

3

Ngokunjalo, nina bafazi, wathobeleni awenu amadoda, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalivayo ilizwi, athi ngehambo yabafazi, lingekho ilizwi, azuzeke;
ebonela ihambo yenu enyulu, enoloyiko.
Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo;
makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.
Kuba babefudula besenjenjalo abafazi abangcwele, abo babemthembile uThixo, ukuhomba kwabo, bewathobele awabo amadoda;
njengokuba uSara wamlulamelayo uAbraham, embiza ngokuthi yinkosi; eningabantwana bakhe nina, nakuba nisenza okulungileyo, ningoyiki nto yethusayo.
Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.
Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nobubele.
Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani, nisazi ukuba nabizelwa oku, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.
Kuba Lowo unga angathanda ubomi, Ayibone imihla elungileyo, Makaluphezise ulwimi lwakhe ebubini, Nomlomo wakhe ungathethi inkohliso;
Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo; Makafune uxolo, aluphuthume.
Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa, Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo; Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.
Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo?
Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka.
INkosi ke uThixo yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko;
ninesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.
Ukuba ke kungaba kukuthanda kukaThixo ukuba nive ubunzima, okona kunilungeleyo kukubuva nisenza okulungileyo, kunokubuva nisenza okubi.
Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya.
Awathi ekuwo, waya washumayela koomoya abasekukhonkxweni,
ababefudula bengeva, xenikweni ukuzeka kade umsindo kukaThixo kwakulindile ngemihla kaNowa, kwakubon’ ukuba kulungiswa umkhombe, ekwasindiselwa kuwo imiphefumlo embalwa, oko kukuthi esibhozo, ngamanzi.
Olusisindisayo ngawo nathi ngoku ubhaptizo ngokomfuziselo; olungekuko ukulahla ubunyhukunyhuku benyama; olukukubuzisa kuThixo kwesazela esilungileyo, ngokuvuka kukaYesu Kristu;
osekunene kukaThixo, eye emazulwini, kwakubon’ ukuba kuthotyelwe phantsi kwakhe izithunywa zezulu, noomagunya, namandla.

4

Ekubeni ngoko uKristu eve ubunzima ngenxa yethu esenyameni, xhobani nani kwaloo ngcingane; ngokuba lowo uve ubunzima esenyameni, ukhunyulwe ekoneni;
ukuze ixesha eliseleyo enyameni ningabi saliphilela ezinkanukweni zabantu, niliphilele ekuthandeni kukaThixo.
Kuba lisanele ixesha elidluleyo lokuphila kwethu, esasisenza ukuthanda kweentlanga, sasihamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, emithayini, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni;
abathe nqa ngako ukuba ningabaleki kunye nabo, ukuya kwakuwo loo melelo wokuzibhubhisa, benyelisa;
abaya kuphendula kulowo ulungele ukugweba abaphilileyo nabafileyo.
Kuba ngenxa yoku zashunyayelwa iindaba ezilungileyo nakwabafileyo, ukuze bagwetywe okunene ngokwabantu besenyameni, kodwa badle ubomi ngokukaThixo, bekuwo umoya.
Ke kaloku ukuphela kwezinto zonke kusondele. Yibani nesidima ngoko, nibe nobungcathu, ukuba nithandaze.
Ngaphezu kweento zonke ke, yibani nothandano olunyamekileyo, ngokuba uthando luya kugubungela inkitha yezono.
Bukanani, ningenakukrokra.
Yithini elowo, njengoko wasamkelayo isipho sokubabalwa, nilungiselelane ngaso, njengamagosa amahle obabalo ngobabalo lukaThixo.
Ukuba umntu uyathetha, makathethe ngokwezihlabo zikaThixo; ukuba umntu uyalungiselela, makalungiselele ngokwasekomeleleni akuphiwa nguThixo, ukuze ezintweni zonke azukiswe uThixo ngoYesu Kristu, elulolwakhe uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo okhoyo phakathi kwenu wokunilinga, ngathi nihlelwa yinto yokuthelwa nqa.
Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba.
Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo; ngokuba uMoya wozuko nokaThixo uphumle phezu kwenu; ngokukokwabo okunene uyanyeliswa, kodwa ngokukokwenu uyazukiswa.
Makungabikho ke bani kuni uva ubunzima ngokombulali, nangokwesela, nangokomenzi wobubi, nangokovelela izinto angatheni nazo.
Ukuba ke ubani uva ubunzima ngokuba engumKristu, makangadani; makamzukise ke uThixo ngaloo ndawo.
Ngokuba lixesha lokuba ugwebo luqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqala ngathi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangazivayo iindaba ezilungileyo zikaThixo?
Kanjalo ukuba nelungisa eli lisindiswa ngenkankulu, ongahloneli Thixo nongumoni woba phi na?
Ngoko ke abo babuvayo ubunzima ngokokuthanda kukaThixo, mabayiyaleze kuye imiphefumlo yabo, enguMdali othembekileyo ekwenzeni okulungileyo.

5

Amadoda amakhulu la aphakathi kwenu ndiyawavuselela, ndikwayindoda enkulu kunye nawo, nengqina leentlungu zikaKristu, nedlelane nawo ngobuqaqawuli obuza kutyhileka.
Waluseni umhlambi kaThixo ophakathi kwenu, niwuvelela, kungengakunyanzelwa, makube ngokokuzithandela; kungengenxa yenzuzo embi, makube ngokuthumekelela;
kungabi njengabazigagamelayo izahlulo zawo, yibani yimizekelo kumhlambi.
Nothi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo.
Ngokunjalo, nina manci, wathobeleni amadoda amakhulu. Thobelanani nonke ke, ninxibe ukuthobeka kwentliziyo; ngokuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale ke abazithobileyo.
Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo.
Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele.
Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo;
mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini.
Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi ngokwakhe, nakuba nive ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.
Kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
NgoSilvano, umzalwana othembekileyo, njengoko ndicinga ngako, ndibhale kuni ngokufutshane, ndivuselela, ndingqina ukuba olu lubabalo oluyinene lukaThixo, nimiyo kulo.
Liyanibulisa ibandla eliseBhabheli, elinyuliweyo kunye nani; noMarko unyana wam uyabulisa.
Bulisanani ngolwango lothando. Uxolo malube kuni nonke enikuKristu. Amen.

Lizenz
CC-0
Link zur Lizenz

Zitationsvorschlag für diese Edition
TextGrid Repository (2025). Peter the Apostle. 1 Peter (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C425-1