1

Ilizwi likaYehova elafika kuZefaniya unyana kaKushi, unyana kaGedaliya, unyana ka-Amariya, unyana kaHezekiya, ngemihla kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda.
Ndiya kususa ndiyisuse into yonke ehlabathini; utsho uYehova.
Ndiya kususa abantu neenkomo; ndiya kususa iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle; nezikhubekiso kunye nabangendawo; ndibanqamle abantu emhlabeni; utsho uYehova.
Ndiya kusolula isandla sam phezu koYuda, naphezu kwabemi bonke baseYerusalem, ndinqamle kuyo le ndawo amasalela akwaBhahali, negama lababingeleli abangengabo, kunye nababingeleli;
nabaqubuda kumkhosi wezulu phezu kwezindlu, nabaqubudi abazinikela kuYehova ngesifungo, bafunge ukumkani wabo;
nababuya umva kuYehova, nabangamfunanga uYehova, abangamquqelanga.
Yithini tu ebusweni beNkosi uYehova; ngokuba isondele imini kaYehova; kuba uYehova ulungise umbingelelo, ungcwalise abamenywa bakhe.
Kuya kuthi ngemini yombingelelo kaYehova, ndibavelele abathetheli, noonyana bokumkani, nabo bonke abambatha izambatho zolunye uhlanga.
Ndobavelela ngaloo mini bonke abatsiba embundwini womnyango, abazalisa indlu yenkosi yabo ngogonyamelo nenkohliso.
Kothi ngaloo mini, utsho uYehova, kuvele izwi lokukhala esangweni leentlanzi, kuvele nokubhomboloza kwesesibini isahlulo somzi, kuvele ukuqhekeka okukhulu ezindulini.
Bhombolozani, bemi basemgongxweni, kuba badakile bonke abantu bakwaKanan, banqunyulwe bonke abathwali besilivere.
Kuya kuthi ngelo xesha, ndiyigqutha gquthe iYerusalem ndinezibane, ndiwavelele amadoda agovalele ezintliziyweni zawo; atshoyo ukuthi ezintliziyweni zawo, UYehova akenzi kulungileyo, akenzi nakubi.
Ubutyebi bawo buya kudywidwa, nezindlu zawo zibe ngamanxuwa; akhe izindlu, angazihlali; atyale izidiliya, angayiseli iwayini yazo.
Isondele imini enkulu kaYehova, isondele, ikhawulezile kakhulu. Yivani, imini kaYehova! Liyakhala ngokukrakra khona igorha.
Loo mini yimini yokuphuphuma komsindo, yimini yembandezelo nocutheko, yimini yentshabalala yakwantshabalala, yimini yobumnyama nesithokothoko, yimini yamafu, namafu amnyama;
yimini yesigodlo nokuhlaba umkhosi emizini enqatyisiweyo, naseluqoqweni olude.
Ndiya kubabandezela abantu, bahambe ngokweemfama, kuba bonile kuYehova; liphalazwe igazi labo njengothuli, nenyama yabo njengobulongo.
Nesilivere yabo negolide yabo ayisayi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; lotshiswa lonke ihlabathi ngumlilo wekhwele lakhe. Ngokuba uya kubaphelisa, inene, abenze into ekhwankqisayo bonke abemi behlabathi.

2

Zihlanganiseni nizihlanganise, luhlangandini lungadaniyo,
ungekazali ummiselo (kuba imini le idlula njengomququ), kungekanifikeli ukuvutha komsindo kaYehova, ingekanifikeli imini yomsindo kaYehova.
Funani uYehova, nonke balulamileyo belizwe, bakwenzileyo okusesikweni kwakhe; funani ubulungisa, funani ululamo, mhlawumbi nositheliswa ngemini yomsindo kaYehova.
Ngokuba iGaza iya kuba sisishiywa, neAshkelon ibe linxuwa; iAshdode iya kugxothwa emini emaqanda, inyothulwe iEkron.
Uha, abemi becandelo laselwandle, uhlanga lwamaKreti! Ilizwi likaYehova lichasene nani, Kanan, lizwe lamaFilisti. Ndokutshabalalisa ke, kungabikho ukumayo.
Icandelo laselwandle liya kuba ngamakriwa, nemiqolomba yabalusi, libe zizibaya zempahla emfutshane.
Loba licandelo lamasalela endlu yakwaYuda; aya kwalusela kulo, abuthe ezindlwini zaseAshkelon ngokuhlwa; kuba uya kuwavelela uYehova uThixo wawo, akubuyise ukuthinjwa kwawo.
Ndikuvile ukungcikiva kukaMowabhi, nokunyelisa koonyana baka-Amon, ababangcikive ngako abantu bam, bazikhulisa emdeni wabo.
Ngako oko, ndihleli nje, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, inene, elakwaMowabhi liya kuba njengeSodom, neloonyana baka-Amon libe njengeGomora, libe lilifa lamarhawu, libe sisigingqi setyuwa, kube senkangala kulo, kude kuse ephakadeni. Amasalela abantu bam aya kubaphanga, amaqongqolo ohlanga lwam abadle ilifa.
Kuya kuba njalo kubo ngenxa yekratshi labo, ngokuba bengcikivile, bazikhulisa kubantu bakaYehova wemikhosi.
Uyoyikeka uYehova kubo; kuba uyabangcungcuthekisa bonke oothixo behlabathi, ziqubude kuye zonke iziqithi zeentlanga, elowo esendaweni yakhe.
Nani maKushi, ningababuleweyo ngekrele lam.
Uya kusolula isandla sakhe ngakwelisentla, ayitshabalalise iAsiriya, ayenze ibe linxuwa iNineve, ayenze umqwebedu onjengentlango.
Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi, izinto eziphilileyo nokuba ziziphi, ziziimfidi; ingcwangube nokhwalimanzi balale emanqanamini; kobakho lizwi leemvumi ezifestileni, amazala emibundwini yeminyango; ngokuba ewuhlubile umsebenzi wabo wemisedare.
Nguwo lowo umzi obudlamkile, obuhleli ukholosile, obusithi entliziyweni yawo, Ndim kwaphela, akukho wumbi. Utheni na ukuba ube linxuwa, ube sisikhundla samarhamncwa! Bonke abadlulayo kuwo benza umsondlo, baphekuze ngesandla sabo.

3

Yeha, umzi oneenkani, ongcolileyo, oxinzelela phantsi!
Awuphulaphulanga lizwi; awamkelanga ngqeqesho; awukholosanga ngoYehova, awusondelanga kuThixo wawo.
Abathetheli bawo phakathi kwawo baziingonyama ezibharhulayo; abagwebi bawo baziingcuka zangokuhlwa, ezingabeki nto ukuze ziyigunuze kwakusa.
Abaprofeti bawo bayaxhaphazela, ngamadoda anginizayo: ababingeleli bawo bayayihlambela ingcwele, bagonyamela umyalelo.
UYehova ulilungisa esazulwini sawo; akenzi ngabugqwetha; imiso ngemiso ukumisa emhlotsheni okusesikweni kwakhe, angasileli; ke yena onobugqwetha akakwazi ukudana.
Ndizinqamle iintlanga, zichithakele iingqoqo zezindlu zazo. Ndizonakalisile izitrato zazo, ukuba kungabikho udlula ngazo; idilikile imizi yazo, ukuba kungabikho mntu, kungabikho umiyo kuyo.
Ndathi kodwa, Mawundoyike, uyamkele ingqeqesho, linganqanyulwa ikhaya lakho, njengako konke endakumisela khona; ke bavuka kusasa, bonakalise ngeentlondi zabo zonke.
Ngako oko yilindeleni kum, utsho uYehova, ide ibe yimini yokuvuka kwam, ndithimbe. Ngokuba kulunge kum ukuhlanganisa iintlanga, ndibuthe izikumkani, ukuze ndiyiphalaze ingqumbo yam phezu kwazo, konke ukuvutha komsindo wam; kuba liya kutshiswa ngumlilo wekhwele lam lonke ihlabathi.
Kuba ngelo xesha ndiya kuziguqulela izizwe intetho enyulu, ukuze zinqule igama likaYehova zonke ziphela, zimkhonze ngaxhatha linye.
Ziya kuthabathela phesheya kwemilambo yakwaKushi, zibazise abandithandayo, intombi yeentsali zam, bengumnikelo wam wokudla.
Ngaloo mini akuyi kudana ngenxa yeentlondi zakho zonke, owakreqa ngazo kum; ngokuba ngelo xesha ndiya kubasusa phakathi kwakho abadlamkileyo bakho, benekratshi, ungaphindi uzidle ngokwakho entabeni yam engcwele.
Kanjalo ndiya kusalisa phakathi kwakho abantu abaziintsizana, abazizisweli, abaya kuzimela egameni likaYehova.
Amasalela akwaSirayeli akayi kwenza ngobugqwetha, akayi kuthetha amanga, aluyi kufumaneka emlonyeni wawo ulwimi lwenkohliso; ngokuba wona aya kudla, abuthe, kungabikho uwothusayo.
Memelela, ntombi inguZiyon: duma, Sirayeli; vuya, udlamke ngentliziyo yonke, ntombi inguYerusalem.
UYehova ukususile ukugwetywa kwakho, uzidedisile iintshaba zakho; ukumkani wakwaSirayeli, uYehova, uphakathi kwakho; akusayi kuba sabona bubi.
Ngaloo mini baya kuthi kwiYerusalem, Musa ukoyika; Ziyon, mazingawi izandla zakho.
UYehova uThixo wakho uphakathi kwakho, ligorha elisindisayo; unemihlali ngawe, enovuyo; uthe cwaka eluthandweni lwakhe, ugcoba ngawe ememelela.
Ndiya kubahlanganisa abalilela umthendeleko, bengabakuni; ingcikivo ibaphethe.
Yabona, ndiya kubenza ngendawo bonke abacinezeli bakho ngelo xesha; ndiyisindise into eqhwalelayo, ndiyihlanganise into egxothiweyo; ndibenze indumiso negama emazweni onke abahlaziswa kuwo.
Ngelo xesha ndiya kunizisa, ndinibuthe ngexesha elililo; ngokuba ndiya kunenza nibe negama, nidunyiswe phakathi kwezizwe zonke zehlabathi, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwenu phambi kwamehlo enu; utsho uYehova.

Lizenz
CC-0
Link zur Lizenz

Zitationsvorschlag für diese Edition
TextGrid Repository (2025). Christos Christodoulopoulos. Zephaniah (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3DD-3