1

Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kuYona, unyana ka-Amitayi, lisithi,
Suk’ ume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemeze ngawo; kuba iindawo zawo ezimbi zinyukile, zeza phambi kwam.
Wesuka uYona, ebalekela eTarshishe, emka ebusweni bukaYehova. Wehla ke waya eYafo, wafumanana nenqanawa eya eTarshishe. Wayirhola ingqesho yayo, wehla, wangena kuyo, ukuze aye nabo eTarshishe, emke ebusweni bukaYehova.
Ke uYehova wagalelekisa umoya omkhulu elwandle; kwabakho umoya omkhulu ovuthuzayo elwandle, inqanawa leyo yanga iza kwaphuka.
Boyika oomateloshe, bakhala elowo kuthixo wakhe; bayijulela elwandle impahla ebisenqanaweni, ukuziphungulela bona. UYona ke wayehle waya ezantsi enqanaweni, wasindwa bubuthongo walala.
Wasondela kuye umphathi wababheqi, wathi kuye, Wenzani na, thongorhandini? Vuka, ubize kuThixo wakho; mhlawumbi uThixo angasikhumbula, singabhubhi.
Bathi omnye komnye, Yizani, senze amaqashiso, sazi ukuba kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi. Benza amaqashiso, iqashiso laphuma noYona.
Bathi kuye, Khawusixelele, kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi? uyintoni na umsebenzi wakho? uvela phi na? liphi na ilizwe lakowenu? ungowabaphi na abantu?
Wathi kubo, NdingumHebhere; ndiyamoyika uYehova, uThixo wamazulu, owenza ulwandle, nomhlaba lo womileyo.
Oyika amadoda lawo ngoloyiko olukhulu, athi kuye, Yintoni na le uyenzileyo? Ngokuba amadoda lawo ayesazi ukuba ubaleka emka ebusweni bukaYehova; kuba wayewaxelele.
Athi kuye, Masenze ntoni na kuwe, ukuze ulwandle ludambe, lusiyeke? Kuba ulwandle belusiya lusilwa.
Wathi kuwo, Ndifunquleni, nindijulele elwandle, ludambe ulwandle, luniyeke; kuba ndiyazi, ukuba lo moya, mkhulu uvuthuzayo, uphezu kwenu, ungenxa yam.
Atyhudisa emazeni amadoda, ezama ukuyibuyisela emhlabeni owomileyo inqanawa; akhohlwa, kuba ulwandle lwaya lusilwa phezu kwazo ngeenxa zonke.
Anqula uYehova, athi, Gxebe, Yehova, masingafi, masingafi ngomphefumlo wale ndoda, ungalibeki phezu kwethu igazi elimsulwa; ngokuba wena, Yehova, wenze ngokuthanda kwakho.
Amfunqula ke uYona, amjulela elwandle; lwazola ulwandle, lwakuyeka ukujala kwalo.
Amadoda amoyika uYehova ngoloyiko olukhulu, abingelela kuYehova umbingelelo, abhambathisa izibhambathiso.
UYehova wamisela intlanzi enkulu ukuba imginye uYona. UYona waba sembilinini wentlanzi iimini ezintathu nobusuku obuthathu.

2

UYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe embilinini wentlanzi, wathi, Ndakhala kuYehova ndisembandezelweni, Wandiphendula;
Ndazibika ndisesiswini selabafileyo, Waliva wena ilizwi lam.
Ngokuba wawundiphosa enzulwini, embilinini yeelwandle, Umlambo waba ngeenxa zonke kum; Adlula phezu kwam onke amaza akho alwayo, namaza akho agugumayo.
Ndathi ke mna, Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho; Noko ke ndiya kubuya ndibheke etempileni yakho engcwele.
Andirhawula amanzi, ada eza emphefumlweni; Andijikeleza amanzi enzonzobila; Ingca yolwandle yayithi jize intloko yam.
Ndehla ndaya ezikhondweni zeentaba; Lona ihlabathi, imivalo yalo yandivalela ngonaphakade; Wasuka wabunyusa emhadini ubomi bam, Yehova Thixo wam.
Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kwam, ndakhumbula uYehova: Wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele.
Abagcine amampunge angento yanto Bashiya inceba yabo
Ke mna ndiya kubingelela kuwe ndinezwi lokubulela: Endakubhambathisayo ndiya kukuzalisa. Usindiso lukuYehova.
UYehova wathetha nentlanzi, yamhlanzela uYona emhlabeni owomileyo.

3

Kwafika ilizwi likaYehova kuYona okwesibini, lisithi,
Suk’ ume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemeze ngawo umemezo endithetha lona kuwe.
Wesuka ke uYona, waya eNineve ngokwelizwi likaYehova. Ke kaloku iNineve ibingumzi omkhulu kuThixo, iluhambo lweentsuku ezintathu.
UYona waqala wangena kuloo mzi uhambo losuku olunye, wamemeza, wathi, Zisaya kuba ziintsuku ezimashumi mane, iNineve ibhukuqwe.
Amadoda aseNineve akholwa kuThixo, amema uzilo, ambatha ezirhwexayo, ethabathela kwabakhulu bawo, esa kwabancinane bawo.
Lafika ilizwi elo kukumkani waseNineve; wesuka etroneni yakhe, wayisusa wayibeka phantsi ingubo yakhe ende, wazigubungela ngezirhwexayo, wahlala phantsi eluthuthwini.
Wathi, makudandulukwe kutshiwo eNineve ngomthetho wokumkani nezikhulu zakhe, ukuthi: Umntu nempahla enkulu, iinkomo nempahla emfutshane, mazingevi nento; mazingadli, mazingaseli namanzi;
maze azigubungele ngezirhwexayo umntu nempahla enkulu, akhale kuThixo ngokunamandla, abuye elowo endleleni yakhe embi, elugonyamelweni olusezandleni zakhe.
Ngubani na owaziyo ukuba akangebuyi kanti azohlwaye uThixo, abuye ekuvutheni komsindo wakhe, ukuze singabhubhi?
UThixo wazibona izenzo zabo, ukuba babuyile ezindleleni zabo ezimbi; uThixo wazohlwaya ngenxa yobubi, abethe uya kubenza kubo; akabenza.

4

Kwaba kubi kuYona kakhulu, wavutha ngumsindo.
Wathandaza kuYehova, wathi, Camagu, Yehova! Labe lingelilo na ilizwi lam eli, ndisesemhlabeni wakowethu? Ngenxa yoko ndaphanga ngokubalekela eTarshishe; ngokuba ndandisazi ukuba unguThixo obabalayo, onemfesane, ozeka kade umsindo, onenceba enkulu, ozohlwayayo ngenxa yobubi.
Ke ngoku, Yehova, seluwuthabatha umphefumlo wam kum, kuba ukufa kum kulungile kunokuba ndidle ubomi.
Wathi uYehova, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo?
Waphuma ke uYona kuwo umzi, wahlala ngasempumalanga kuwo umzi, wazenzela khona umnquba; wahlala ngaphantsi kwawo emthunzini, ukuze ade abone ukuba kuya kuthekani na kuwo umzi.
UYehova uThixo wammisela umhlavuthwa; waphuma, wenyuka waba phezu koYona, ukuba ube ngumthunzi entlokweni yakhe, umhlangule ebubini bakhe. Wawuvuyela uYona umhlavuthwa lowo, wawuvuyela kakhulu.
UThixo wamisela intlava, ukuthi qhiphu kokusa ngengomso, yabetha umhlavuthwa lowo, woma.
Kwathi ekuphumeni kwelanga, uThixo wamisela ulophu lwasempumalanga; ilanga labetha kuYona entloko, wawa isiduli; wawucelela ukufa umphefumlo wakhe, wathi, Kulungile ukufa kum, kunokuba ndidle ubomi.
Wathi uThixo kuYona, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo ngenxa yomhlavuthwa? Wathi, Ndiyalungisa ukuthi ndivuthe ngumsindo kude kuse ekufeni.
Wathi uThixo, Wena unenceba ngomhlavuthwa, ongabulalekanga nguwo, ongawuhlumisanga, okhule ngobusuku, wadaka ngobusuku:
ndingabi nanceba na ke mna ngenxa yeNineve, loo mzi mkhulu, unabantu abangaphezu kwekhulu elinamanci mabini amawaka, abangakwaziyo ukunene kwabo kwikhohlo labo; kwanempahla enkulu eninzi?

Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Jonah (Xhosa). Jonah (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3D3-D