1
Ilizwi likaYehova elafika kuHoseya unyana kaBheri, ngemihla kaUziya, kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda; ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli.
Ukuqala kokuthetha kukaYehova noHoseya, wathi uYehova kuHoseya, Yiya uzeke umfazi wobuhenyu nabantwana bobuhenyu; ngokuba ilizwe lihenyuze kakhulu, lemka kuYehova.
Waya ke, wazeka uGomere intombi kaDibhelayim; wakhawula, wamzalela unyana.
UYehova wathi kuye, Mthiye igama lokuba nguYizereli; ngokuba kusaya kuba ngumzuzwana, ndiwavelele amagazi akwaYizereli kwindlu kaYehu, ndibuphelise ubukumkani bendlu kaSirayeli.
Kuya kuthi ngaloo mini ndisaphule isaphetha sakwaSirayeli entilini yaseYizereli.
Waphinda wakhawula, wazala intombi. Wathi uYehova kuye, Yithiye igama lokuba nguAkenzelwanga-mfesane ngokuba andiyi kuba saphinda ndiyenzele mfesane indlu kaSirayeli, ndingabaxoleli nokubaxolela.
Ndiya kuyenzela imfesane ke indlu kaYuda, ndibasindise ngoYehova uThixo wabo, ndingabasindisi ngasaphetha, nangakrele, nangamfazwe, ngamahashe, nangabamahashe.
Akumlumla ke uAkenzelwanga-mfesane, wakhawula wazala unyana.
Wathi uYehova, Mthiye igama lokuba nguAsibantu-bam; ngokuba aningabantu bam, nam andiyi kuba ngowenu.
Ke inani loonyana bakaSirayeli liya kuba ngangentlabathi yaselwandle, engalinganiswayo, engabalwayo; kuthi endaweni yokuba kuthiwe kubo, Aningabantu bam, kusuke kuthiwe kubo, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.
Bohlanganisana ndawonye oonyana bakaYuda noonyana bakaSirayeli, bazimisele intloko ibe nye, banyuke baphume kwelo zwe; kuba iya kuba nkulu imini yaseYizereli.
2
Yithini kubazalwana benu, Wenani, bantu bam! nithi koodade benu, Wa, Menzelwa-mfesane! Bambanani nonyoko, bambanani naye; kuba akamfazi wam, andindoda yakhe.
Nize nitsho asuse ubuhenyu bakhe ebusweni bakhe, nokukrexeza kwakhe phakathi kwamabele akhe;
hleze ndimhlube abe ze, ndimmise enjengamini wazalwa, ndimenze abe njengentlango, ndimmise abe njengelizwe elingumqwebedu, ndimbulale ngenxano;
ndingasikwa mfesane ngenxa yabantwana bakhe; kuba bengabantwana bobuhenyu bona.
Kuba unina uhenyuzile, wenze okuziintloni umzali wabo; ngokuba wathi, Ndiya kulandela izithandane zam, ezindinika isonka sam, namanzi am, uboya bam begusha neflakisi yam, ioli yam nento endiyiselayo.
Ngako oko, yabona, ndiya kuyibiyela indlela yakho ngameva, ndakhe udonga, angawufumani umendo wakhe.
Uya kuzisukela izithandane zakhe, angafiki kuzo; azifune, angazifumani: athi Ndiya kuya ndibuyele endodeni yam yokuqala, kuba bekulungile kum oko kunangoku.
Akazi ukuba ndim owamnikayo ingqolowa, newayini entsha, neoli; ndamandisela isilivere negolide, abasuka bayenzela uBhahali.
Ngako oko ndiya kubuya, ndiyithabathe ingqolowa yam ngexesha layo, newayini yam entsha ngexesha layo elimisiweyo; ndibuhluthe uboya beegusha, neflakisi yam yokugubungela ubuze bakhe.
Ngoku ke ndowatyhila amanye akhe emehlweni ezithandane zakhe, kungabikho bani umhlangulayo esandleni sam.
Ndoluphelisa lonke uvuyo lwakhe, umthendeleko wakhe, nokuthwasa kwenyanga kuye, neesabatha zakhe, namaxesha akhe onke amisiweyo.
Ndiya kuyibharhisa imidiliya yakhe, nemikhiwane yakhe, abesithi yena, Lutshedo lwam olu, endalunikwayo zizithandane zam; ndoyenza ibe lihlathi, idliwe ziinyamakazi zasendle.
Ndomvelela ngenxa yemihla yooBhahali, abeqhumisela ngayo kubo; abezihombisa ngamagabha akhe empumlo, nesambalo sakhe; abelandela izithandane zakhe, andilibale mna; utsho uYehova.
Ngako oko, yabona, ndiya kumrhwebesha, ndimse entlango, ndithethe kakuhle naye.
Ndomnika izidiliya zakhe, zithabathele khona, nentili yeAkore ibe lisango lethemba, aphendule khona njengeemini zobuncinane bakhe, nanjengemini yokunyuka kwakhe, ephuma ezweni laseYiputa.
Kuya kuthi ngaloo mini, utsho uYehova, undibize ngokuthi, Ndoda yam; ungabi sandibiza ngokuthi, Bhahali wam.
Ngokuba ndiya kuwasusa amagama ooBhahali emlonyeni wakhe, bangabi sakhunjulwa ngamagama abo.
Ngaloo mini ndobenzela umnqophiso namarhamncwa asendle, neentaka zezulu, nezinambuzane zomhlaba; ndaphule isaphetha nekrele nemfazwe, ezo zinto zingabikho ezweni; ndibahlalise bekholosile.
Ndokugana ube ngowam ngonaphakade, ndikugane ube ngowam ngobulungisa nangokusesikweni, nangenceba nangemfesane;
ndikugane ube ngowam ngokuthembeka, umazi uYehova.
Kuya kuthi ngaloo mini, ndiphendule, utsho uYehova; ndiya kuliphendula izulu, lona liphendule ihlabathi;
ihlabathi liphendule ingqolowa, newayini entsha, neoli; ezo zinto ziphendule uYizereli.
Ndozihlwayelela yena elizweni, ndimenzele imfesane uAkenzelwanga-mfesane; ndithi kuAsibantubam, Ungabantu bam; aze athi kum, UnguThixo wam.
3
Wathi uYehova kum, Phinda, uye uthande umfazi, ethandwa nguwabo, ekrexeza; njengoko uYehova abathandayo oonyana bakaSirayeli, bebheka thixweni bambi nje, bethanda izicumba zeerasintyisi.
Ndamthenga wangowam ngeshumi elinesihlanu lesilivere, nehomere yerhasi, neleteke yerhasi.
Ndathi kuye, Uze uhlalele mna imihla emininzi, ungahenyuzi, ungabi wandoda yimbi; nam ndenjenjalo kuwe.
Ngokuba oonyana bakaSirayeli baya kuhlala imihla emininzi bengenakumkani, bengenamthetheli, bengenambingelelo, bengenasimiso samatye, bengenaefodi namilonde-khaya.
Emveni koko baya kubuya oonyana bakaSirayeli, bamquqele uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo; baye benkwantya kuYehova, nasekulungeni kwakhe ekupheleni kwemihla.
4
Liveni ilizwi likaYehova, nyana bakaSirayeli; ngokuba uYehova ubambene nabemi belizwe eli; ngokuba kungekho nyaniso, kungekho nceba, kungekho kwazi uThixo kweli lizwe.
Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza; bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi.
Ngenxa yoko ilizwe lenza isijwili, zithokombisile zonke izinto ezimi kulo; izinto eziphilileyo zasendle, neentaka zezulu, kwaneentlanzi zolwandle, ziyasuswa.
Kodwa makangabambani omnye nomnye, omnye makangamohlwayi omnye; abantu bakowenu banjengobambene nombingeleli.
Wokhubeka emini, umprofeti enawe akhubeke ebusuku, ndimtshabalalise unyoko.
Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam.
Okukhona bandileyo, kokukhona bonileyo kum; uzuko lwabo ndiya kulwananisa ngocukucezo.
Badla idini lesono labantu bam; umphefumlo wabo bawuphakamisela ebugwenxeni babo.
Kuya kuthi, njengoko banjalo abantu, abe njalo umbingeleli; ndizivelele iindlela zakhe kuye, ndizibuyisele kuye iintlondi zakhe.
Bodla bangahluthi; bahenyuze bangandi; ngokuba bekuyekile ukumphulaphula uYehova.
Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo.
Abantu bam babuzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela; ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuze bemka phantsi koThixo wabo.
Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki nemipopulari nemiterebhinti, kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu.
Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza; noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namangawukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi.
Ukuba uyahenyuza, Sirayeli, makangazeki ityala uYuda; musani ukuya eGiligali, ningenyuki niye eBhetaven, ningafungi nithi, Ehleli nje uYehova.
Kuba uSirayeli uyinjubaqa, njengethokazi eliyinjubaqa; ngoku uYehova uya kubalusela emphangalaleni, njengamatakane.
UEfrayim ubophene nezithixo; myekeni.
Igabadele imithayi yabo; bahenyuza behenyuzile; ziluthande nzulu ucukucezo iingweletshetshe zabo.
Umoya umbambile ngamaphiko awo; baya kudana yimibingelelo yabo.
5
Kuveni oku, babingeleli, nibaze iindlebe, nina ndlu kaSirayeli; nani ndlu yokumkani, bekani iindlebe; ngokuba uze kuni umgwebo lo; kuba nisuke naba ngumgibe eMizpa, naba ngumnatha otwatyululweyo phezu kweTabhore.
Bangxokile ukonakalisa ekunxaxheni kwabo; ke ndiyintethiso kubo bonke bephela.
Mna ndiyamazi uEfrayim, noSirayeli akagushiwe kum; ngokuba uhenyuzile ngoku, wena Efrayim, uSirayeli uzenze inqambi.
Izenzo zabo azivumi ukuba babuyele kuThixo wabo; kuba umoya wobuhenyu ukubo, abamazi uYehova.
Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; bokhubeka ooSirayeli noEfrayim ngobugwenxa babo; wokhubeka nabo kwanoYuda.
Baya kuya kumfuna uYehova, benempahla yabo emfutshane neenkomo zabo, bangamfumani; urhoxile kubo.
Banginiza kuYehova, kuba bezele oonyana abangengabo; ngoku ke ukuthwasa kwenyanga kuyabadla, kunye nezahlulo zabo zomhlaba.
Vuthelani izigodlo eGibheha, nexilongo eRama; wuhlabeni eBhetaven, nithi, Emva kwakho, Bhenjamin.
Kuya kuba senkangala kwelakwaEfrayim ngemini yokohlwaya; ezizweni zakwaSirayeli ndisazisile isimakade sesibetho.
Abathetheli bakwaYuda basuka baba njengabashenxisi bomda; ngoko ke ndophalaza phezu kwabo ubushushu bam njengamanzi.
UEfrayim uyacudiswa, uyavikiveka ngumgwebo; kuba usuke wavuma ukulandela umthetho wabo.
Mna ndinjengenundu kwaEfrayim, ndinjengombungu kwindlu kaYuda.
Xa wasibonayo uEfrayim isifo sakhe, uYuda walibona inxeba lakhe; uEfrayim wesuka waya eAsiriya, wathumela kukumkani uYarebhi. Akaba nako ukuniphilisa, akaba nako ukuninceda kwinxeba lenu.
Ngokuba ndinjengengonyama kwaEfrayim, ndinjengengonyama entsha kwindlu kaYuda mna; mna ndiyaqwenga ndimke, ndithimbe, kungabikho mhlanguli.
Ndiya kuhamba ndibuyele endaweni yam, bade beve benetyala, babufune ubuso bam. Ekubandezelekeni kwabo baya kundifuna benyamekile; bathi:
6
Yizani sibuyele kuYehova; kuba eqwengile, wosiphilisa; uxabele, wosibopha.
Wosidlisa ubomi, kwakuba ntsuku mbini; wosiphakamisa ngolwesithathu, sidle ubomi phambi kwakhe.
Masikwazi ke, masikusukele ukumazi uYehova; ukuphuma kwakhe kuqinisekile njengokuphuma kwesifingo, ukuba eze kuthi njengemvula, njengemvula evuthisayo, elinyakamisayo ilizwe.
Mandikuthini na, Efrayim? Mandikuthini na, Yuda? Uthando lwenu lunjengelifu lomso, lunjengombethe ophela kwakusasa.
Ngenxa yoko ndibaxozile ngabaprofeti, ndababulala ngamazwi omlomo wam; ukuze umgwebo wam uphume njengokukhanya.
Ngokuba ndinonelele uthando, andinonelele mbingelelo; ndinonelele ukwazi uThixo, ngaphezu kwamadini anyukayo.
Ke bona bawugqithile umnqophiso njengoAdam, banginiza kum apho.
IGiliyadi ngumzi wabasebenzi bobutshinga; uzele yimikhondo yegazi.
Bunjengokulalelwa kwendoda ngamatutu ubudlelane bababingeleli; bayancinitha endleleni eya kwaShekem, ewe, benze amanyala.
Endlwini kaSirayeli ndibone into ebanga amanwele; apho uEfrayim uyahenyuza, uSirayeli uzenza inqambi.
Kananjalo wena Yuda, umiselwe uvuno, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabantu bam.
7
Ekumphiliseni kwam uSirayeli, kusuke kutyhileke ubugwenxa bukaEfrayim nobubi bakwaSamari; kuba besebenza ubuxoki, isela lingene, amatutu abhunyule ngaphandle.
Abatsho entliziyweni yabo ukuthi ndobukhumbula bonke ububi babo; ngoku zibangqongile iintlondi zabo, zabakho phambi kobuso bam.
Bamvuyisile ukumkani ngeento zabo ezimbi, nabathetheli ngokuxoka kwabo.
Bonke bephela bangabakrexezi; banjengeziko lezonka elibaselwe ngumoji-zonka, okha ayeke ukukhwezela, lo gama axovula intlama, ide ifukuke.
Ngemini yokumkani wethu abathetheli bazixhayele isifo ngobushushu bewayini; uthabathene nabagxeki.
Ngokuba bayisondeze intliziyo yabo emlaleni wabo, ngathi kusezikweni lezonka; bonke ubusuku ulele umoji-zonka wabo; kusasa lona livutha njengomlilo olenyayo.
Bonke bephela bashushu njengeziko lezonka, bayabadla abagwebi babo; bonke ookumkani babo bawile; akukho namnye kubo undinqulayo.
UEfrayim yena uzekazekana nezizwe; uEfrayim uliqebengwana lesonka elingaguqulwanga.
Abasemzini bawadlile amandla akhe, ukanti yena akazi; nezimvi zithe saa kuye, noko akazi yena.
Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; noko ababuyeli kuYehova uThixo wabo, abamfuni kuko konke oku.
UEfrayim unjengevukuthu elimathileyo, elingenantliziyo; babiza iYiputa, baya eAsiriya.
Ndothi, bakubon ukuba bayaya, ndiwutwabulule phezu kwabo umnatha wam, ndibathobe njengeentaka zezulu; ndiya kubathethisa ngokweendaba endazivakalisayo ebandleni labo.
Yeha ke bona! kuba babalekile kum. Yimbubho kubo! kuba bakreqile kum. Mna ngendibakhulule, basuka bona bathetha amanga ngam.
Abakhalanga kum ngeentliziyo zabo, basuka bamana bebhomboloza ezililini zabo; baqukana ngenxa yengqolowa newayini entsha, baphambuka, bandichasa.
Mna ndiziqeqeshile, ndazomeleza, iingalo zabo; ke bona bacinga ububi ngam.
Bayabuya, kodwa ababuyeli phezulu; banjengesaphetha esityeketyeke. Baya kuwa likrele abathetheli babo, ngenxa yobhavumo lolwimi lwabo. Oko kukugculelwa kwabo ezweni laseYiputa.
8
Beka isigodle emlonyeni wakho. Utshaba luyirhiwula indlu kaYehova njengexhalanga; ngenxa yokuba bewugqithile umnqophiso wam, bakreqa kumyalelo wam.
Baya kukhala kum, bathi, Thixo wethu, siyakwazi, thina Sirayeli.
Iyanuka kuSirayeli into elungileyo; utshaba malumsukele.
Bamise ookumkani, bengaveli kum; benze abathetheli, ndingazi mna; isilivere yabo negolide yabo bayenze izithixo, ukuze inqanyulwe.
Ithole lakho liyanuka, Samari: umsindo wam uyavutha kubo; kunini na bengakwazi ukuziphatha msulwa?
Ngokuba nalo elo liphuma kwaSirayeli; lenziwe yingcibi, aliThixo lona; ke liya kucoleka ithole lakwaSamari.
Ngokuba behlwayele umoya, baya kuvuna isaqhwithi. Akukho zimba kuwo; isithombo asenzi sikhwebu; nokuba besithe saba naso, besiya kudliwa ngabasemzini.
Uginyiwe uSirayeli; ngoku basezintlangeni njengempahla engananziweyo.
Kuba bona banyuke baya eAsiriya, njenge-esile lasendle lihamba lilodwa, lahlukile; ke yena uEfrayim uziqeshile izitharudane.
Nakuba beqesha nokuqesha ezintlangeni, ndiya kubabutha ngoku, baqale banciphe ngenxa yomthwalo wokumkani wabathetheli.
Kuba uEfrayim uzandisile izibingelelo zokona; kuye izibingelelo zaba zezokona.
Ndimbhalela into eninzi yemiyalelo yam; bayicingela into engento.
Imibingelelo yezipho zam bayayibingelela, bayidla ngokwenyama; ke ayakholeka kuYehova; ngokunje uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo; baya kubuyela bona eYiputa.
Kuba uSirayeli wamlibala uMenzi wakhe, wakha amabhotwe; uYuda wayandisa imizi enqatyisiweyo. Ke mna ndiya kuthumela umlilo emizini yakhe, uzidle iingxande zakhe ezinde.
9
Musa ukuvuya, Sirayeli, ude ugcobe njengezizwe: ngokuba uhenyuzile, wemka kuThixo wakho; uthande utshequ ezandeni zonke zengqolowa.
Isanda nesixovulelo seoli asiyi kubondla, newayini entsha iya kunidanisa.
Abayi kuhlala ezweni likaYehova; uEfrayim uya kubuyela eYiputa, badle izinto eziyinqambi eAsiriya.
Abayi kumthululela uYehova iwayini, ayiyi kuba mnandi kuye nemibingelelo yabo; ukudla kwabo kubo kuya kuba njengesonka sabalilayo. Bonke abakudlayo baya kuba ziinqambi; ngokuba ukudla kwabo kuya kuba kokwabo, akuyi kungena endlwini kaYehova.
Nothini na ngemini yexesha elimisiweyo, nangemini yomthendeleko kaYehova?
Kuba, yabonani, bemkile ngenxa yembuqo; iYiputa iya kubabutha, iMofi iya kubangcwaba; izinto zabo ezinqwenelekayo zesilivere ziya kuhluthwa ngamarhawu; yimithi enameva ezintenteni zabo.
Kufike iimini zokuvelela, kufike iimini zempindezelo; uya kwazi uSirayeli. Umprofeti sisimathane, ngumbhudi indoda enomoya, ngenxa yobukhulu bobugwenxa bakho nokutshutshisa okuninzi.
Ngumboniseli uEfrayim ngakuThixo wam; umprofeti ngumgibe womthiyeli ezindleleni zakhe zonke, uyintshutshiso endlwini yoThixo wakhe.
Batshonisile ukonakalisa kwabo, njengokwemihla yaseGibheha; uya kubukhumbula ubugwenxa babo, uya kuzivelela izono zabo.
Ndamfumana uSirayeli enjengeediliya entlango; ndababona ooyihlo benjengamakhiwane aqalelayo emkhiwaneni, ekuqaleni kwawo; basuka bona baya kuBhahali-pehore, bazahlulela entweni eziintloni, baba yinto enezothe, njengesithandane sabo.
UEfrayim, uzuko lwakhe luya kubaleka, lumke njengentaka; kungabikho kuzala, nakumitha, nakukhawula.
Ewe, nokuba bathe bakhulisa oonyana, ndobahlutha abantwana, kungabikho luntu. Yeha ke bona, ekusukeni kwam kubo!
Ngoko ndazibonela uEfrayim, ukuba abe yiTire, etyelwe ekriweni; kodwa uEfrayim uya kubakhuphela kumbulali oonyana bakhe.
Banike, Yehova; wobanika ntoni na? Banike isisu esiphumayo, namabele awomileyo.
Bonke ububi babo buseGiligali; kuba ndaqala ukubathiya khona. Ngenxa yobubi beentlondi zabo, ndiya kubagxotha endlwini yam; andiyi kuphinda ndibathande; bonke abathetheli babo baziinjubaqa.
Ubethiwe uEfrayim, ingcambu yabo yomile; abayi kuxakatha siqhamo. Nokuba bathe bazala, ndozibulala izinto ezinqwenelekayo zesisu sabo.
UThixo wam uya kubacekisa, kuba bengamphulaphulanga; baya kuphalaphala ezintlangeni.
10
USirayeli ngumdiliya onabileyo; wazixakathela iziqhamo. Okukhona waba neziqhamo, kokukhona wandisa izibingelelo; okukhona lalungayo ilizwe lakhe, kokukhona walungisa izimiso zamatye.
Yaba buthelezi intliziyo yabo; ngoku baya kuva benetyala. Uya kuziqhekeza izibingelelo zabo, azibhuqe izimiso zabo zamatye.
Ewe, ngoku baya kuthi, Asinakumkani; kuba asimoyikanga uYehova; nokumkani lowa, uya kusenzela ntoni na?
Bathetha amazwi nje, bashwabula ngenkohlakalo, benza iminqophiso; kwahluma okusesikweni, njengobuhlungu emiqeleni yesisimi.
Abemi bakwaSamari banxunguphele ngomfanekiso wethole laseBhetaven; ewe, benza isijwili ngalo abantu balo, bathuthumele ababingeleli balo abangengabo, ngenxa yalo, ngenxa yozuko lwalo, kuba lufudukile kulo.
Liya kusiwa eAsiriya nalo, libe ngumnikelo kukumkani uYarebhi; uEfrayim uya kubanjwa kukudana, adane uSirayeli ngenxa yecebo lakhe.
Ke elakwaSamari, ukumkani walo udakile, unjengeceba phezu kwamanzi.
Iziganga zaseAven, isono sikaSirayeli, zotshabalala. Kuya kuhluma imithana enameva neenkunzana ezibingelelweni zabo; baya kuthi kwiintaba, Siseleleni; nakwiinduli, Siweleni.
Kususela kwimihla yaseGibheha, Sirayeli wona; bahlala khona; akubafikelanga eGibheha ukulwa noonyana bobugqwetha.
Ndiya kubathethisa ke ngokomnqweno wam, zibahlanganyele zonke izizwe, ekubotshelelweni kwabo ebugwenxeni babo bobubini.
UEfrayim lithokazi eliqeqeshiweyo, elithanda ukubhula; mna ke ndibeke idyokhwe entanyeni yalo entle. Ndiyamtsalisa uEfrayim; uYuda uya kulima; uYakobi uya kuziqwakanisela.
Zihlwayeleleni, ukuba kuvele ubulungisa; vunani ngokwenceba; zikhubeleleni umkhubelo, ekubeni ilixesha lokumquqela uYehova, ade afike aninisele ubulungisa.
Nalima okungendawo, navuna ubugqwetha, nadla iziqhamo zobuxoki; kuba wakholosa ngendlela yakho, ngobuninzi bamagorha akho.
Kuya kuvuka ingxolo phakathi kwezizwe zakowenu, zibhuqwe neenqaba zakho zonke, njengoko uShaleman wayibhuqayo iBhete-arbhele ngemini yemfazwe; kwacunyuzwa oonina kunye noonyana.
Iya kwenjenjalo kuni iBheteli, ngenxa yobubi bezinto zenu ezimbi; kwangesifingo uya kusingelwa phantsi aphele ukumkani wakwaSirayeli.
11
Oko uSirayeli ebemncinane, ndamthanda, ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.
Bababiza, kwaba kukhona bemkayo ebusweni babo; babingelela kooBhahali, baqhumisela kwimifanekiso eqingqiweyo.
Mna ke ndamfundisa uEfrayim ukuhamba, ndibaphatha ngeengalo zam; abazanga noko, ukuba ndabaphilisa.
Ndabatsala ngezintya zomntu, ngeentsontelo zothando; kubo ndaba njengomnyinyisi wedyokhwe emihlathini yabo, ndathantamisa ukumnika ukudla.
Akayi kubuyela ezweni laseYiputa; nguAsiriya ukumkani wakhe; kuba abavumanga ukubuya.
Ikrele liya kuyijikeleza imizi yakhe, liyigqibele imivalo yakhe, liyidle, ngenxa yamacebo abo.
Abantu bam baphikele ukubuya umva kum; nakuba bebizelwa phezulu, abaziphakamisi mpela.
Ndingathini na ukukulahla, Efrayim? ndikuncame, Sirayeli? Ndingathini na ukukulahla njengeAdama, ndikwenze ube njengeTsebhoyim? Intliziyo yam iphethukile phakathi kwam, ububele bam buvuthile kunye.
Andiyi kukwenza ukuvutha komsindo wam, andiyi kubuya ndimonakalise uEfrayim; ngokuba ndinguThixo, andimntu; ndingoyiNgcwele phakathi kwakho; andizi ndishushu ngamsindo.
Baya kumlandela uYehova; uya kubharhula njengengonyama; kuba yena uya kubharhula, bavele entshonalanga oonyana, begubha.
Baya kuvela eYiputa, begubha njengeentaka, bavele ezweni laseAsiriya njengamavukuthu, ndibabeke ezindlwini zabo; utsho uYehova.
UEfrayim undirhawule ngobuxoki, indlu kaSirayeli ngenkohliso; noYuda usengumqhathu kuThixo, koyiNgcwele, onyanisileyo.
12
UEfrayim wasukelana nomoya; usukela ulophu lwasempumalanga. Imini yonke wandisa amanga nembuqo: banqophisana neAsiriya, kusiwa ioli eYiputa.
UYehova ubambene noYuda, umvelela uYakobi ngokweendlela zakhe; uya kumbuyisela ngokweentlondi zakhe.
Esizalweni wambamba umkhuluwa wakhe ngesithende, ekuqineni kwakhe wazamana noThixo.
Wazamana naso isithunywa, wafeza, walila, watarhuzisa kuso; samfumana eBheteli, apho ke sasithetha nathi.
UYehova, uThixo wemikhosi, uYehova sisikhumbuzo sakhe.
Wena ke, buyela kuThixo wakho; gcina inceba nokusesikweni, uhlale uthembele kuThixo wakho.
Ungumrhwebi ophethe isikali senkohliso, uthanda ukucudisa.
Wathi uEfrayim, Noko ndisisityebi, ndizifumanele ubutyebi; yonke imigushanxa yam ayindizuzisanga bugwenxa busisono.
Kanti mna ndinguYehova, uThixo wakho nje, kwasezweni laseYiputa; ndisaya kukubeka ezintenteni, njengokwemihla yomthendeleko.
Ndithethe kubaprofeti, ndandisa imibono mna, ndenza imizekeliso ngezandla zabaprofeti.
Ukuba iGiliyadi ilishinitshini, yoba yinto engento kuphela. Babingelela iinkomo eGiligali; izibingelelo zabo nazo zoba njengeemfumba zamatye emiqeleni yesisimi.
UYakobi wabalekela ezweni lakwa-Aram, uSirayeli wakhonza ngenxa yomfazi, wagcina imihlambi ngenxa yomfazi.
UYehova wamnyusa uSirayeli eYiputa ngomprofeti ke, wagcinwa ngomprofeti ke.
UEfrayim uqumbise kakrakra; iNkosi yakhe iya kuwaphosa amagazi akhe phezu kwakhe, isibuyisele kuye isingcikivo sakhe.
13
Wathi akuthetha uEfrayim, kwabakho ukothuka; waphakama yena kwaSirayeli, wesuka wazeka ityala ngoBhahali, wafa.
Ngoku bongeza ukona, bazenzela imifanekiso etyhidiweyo ngesilivere yabo, bazenzela izithixo njengokuqonda kwabo; ingumsebenzi weengcibi wonke uphela; ababingelelayo baseluntwini, bathi ngayo, bawanga amathole.
Ngako oko baya kuba njengelifu lomso, nanjengombethe ophela kwakusasa, njengomququ ophetshethwa sisaqhwithi esandeni, nanjengomsi ophuma ngekroba.
Kanti mna ndinguYehova uThixo wakho, kwasezweni laseYiputa; akuyi kwazi thixo ungendim; akukho namnye umsindisi ngaphandle kwam.
Mna ndakwazi entlango, ezweni lasekubaleleni.
Bathi bakudliswa, bahlutha; bakuhlutha, yaphakama intliziyo yabo; ngenxa yoko bandilibele.
Ngoko ndaba njengengonyama kubo, ndabalalela njengengwe endleleni.
Ndothi gaga kubo njengebhere ehluthwe amathole ayo, ndiwukrazule umhlehlo wentliziyo yabo, ndibadle khona njengengonyamakazi; amarhamncwa asendle aya kubadlavula.
Uzonakalisile, Sirayeli, ngokundichasa kwakho, mna luncedo lwakho.
Uphi na ngoku ukumkani wakho, ukuba angakusindisi emizini yakho yonke? Baphi na ngokunje abagwebi bakho abo, wathi, Ndinike ukumkani nabathetheli?
Ndikunika ookumkani ndinomsindo, ndibathabathe ngokuphuphuma kwawo.
Bubotshiwe ngengxowa ubugwenxa bukaEfrayim, sibekiwe isono sakhe.
Inimba yozalayo iyamzela; ungunyana ongenabulumko, kuba engaveli ngexesha elililo emlonyeni wesizalo.
Ndiya kubakhulula esandleni selabafileyo, ndiya kubahlawulela ndibakhulule ekufeni. Ziphi na iindyikitya zakho, kufa? Iphi na imbubhiso yakho, ngcwaba? Ukuzohlwaya kusithele emehlweni am.
Nokuba yena uya kuba neziqhamo phakathi kwabazalwana bakhe, kuya kuza ulophu lwasempumalanga, umoya kaYehova unyuka entlango, litshe ithende lakhe, wome umthombo wakhe; lowo uya kuphanga ubuncwane beempahla zonke ezinqwenelekayo.
ElakwaSamari liya kuziva linetyala, kuba liphikise uThixo walo. Baya kuwa likrele, iintsana zabo zicunyuzwe, nabamithiyo babo baqangqululwe.
14
Sirayeli, buya, uze kuYehova, uThixo wakho; ngokuba ukhubekile ngobugwenxa bakho.
Thabathani niphathe amazwi, nibuyele kuYehova; yithini kuye, Sixolele bonke ubugwenxa, wamkele izinto zethu ezilungileyo, ukuze sinikele iinkunzi zeenkomo ezintsha, imibulelo yomlomo wethu.
UAsiriya akayi kusisindisa, asiyi kukhwela emahasheni, asiyi kuba sathi kumsebenzi wezandla zethu, Thixo wethu; kuba kuwe inkedama ifumana imfesane.
Ndiya kukuphilisa ukubuya kwabo umva, ndiya kubathanda ngesisa; ngokuba umsindo wam ubuyile kuye.
Ndiya kuba njengombethe kuSirayeli; uya kutyatyamba njengenyibiba, endelisele iingcambu zakhe njengeLebhanon.
Aya kunaba amasebe akhe, bube njengomnquma ubuhle bakhe, ivumba lakhe libe njengeLebhanon.
Baya kubuya abahlala emthunzini wakhe, baphile njengengqolowa, batyatyambe njengomdiliya, isikhumbuzo sawo sibe njengewayini yaseLebhanon.
Efrayim, yintoni na esenam nezithixo? Okwam ndiyamphendula, ndimkhathalela; ndinjengomsipres oluhlaza, siyafunyanwa kum isiqhamo sakho.
Ngubani na olumkileyo, aziqonde ezo zinto? Ngubani na onengqondo, azazi? Ngokuba zithe tye iindlela zikaYehova; ahamba ngazo amalungisa; ke bona abakreqi baya kukhubeka kuzo.
- Lizenz
-
CC-0
Link zur Lizenz
- Zitationsvorschlag für diese Edition
- TextGrid Repository (2025). Christos Christodoulopoulos. Hosea (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3C5-D