1
Yoo! Uhleli wodwa, umzi obantu baye bebaninzi; Obe umkhulu ezintlangeni Usuke waba njengomhlolokazi; umthethelikazi emazweni Usuke waba ngofakwa uviko.
Ulila elilile ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe; Akanamthuthuzeli kuzo zonke izithandane zakhe; Onke amakholwane akhe ammenezelele, Aba lutshaba kuye.
UYuda uye ekuthinjweni, ephuma ezintsizini nasezinkonzweni ezininzi; Yena uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla; Bonke abamsukelayo bamfikele ezingxingongweni.
Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabaya emithendelekweni; Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina; Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra kuyo.
Ababandezeli bayo basuka bayintloko; iintshaba zayo zinobunqobo; Ngokuba uYehova uyenze yanosizi ngenxa yokreqo lwayo oluninzi; Abantwana bayo bemkile, bathinjiwe, baqhutywa ngumbandezeli.
Buphumile entombini enguZiyon bonke ubungangamsha bayo; Abathetheli bayo baba njengamaxhama angafumani dlelo, Ahamba engenamandla phambi komsukeli.
IYerusalem iyazikhumbula, ngemini yeentsizi zayo neyokudinga kwayo, Zonke izinto zayo ezinqwenelekayo ebinazo kwakwiimini zamandulo, Ekuweni kwabantu bayo esandleni sombandezeli, ingenamncedi; Ababandezeli bayo bayibona, bakuhleka ukucinywa kwayo.
IYerusalem asikuko nokuba yonile yona; ngenxa yoko yaba lubhorha; Bonke ababeyizukisa bayayicukuceza, ngokuba babone ubuze bayo; Nayo ngokwayo iyancwina, ibuye umva.
Ubunqambi bayo busezingutyeni zayo ezirhuqayo, ayilikhumbulelanga ikamva layo; Yehla ke ngokubalulekileyo; ayinamthuthuzeli; Ithi, Zikhangele, Yehova, iintsizi zam; ngokuba utshaba luzikhulisile.
Umbandezeli usolule isandla sakhe phezu kwezinto zayo zonke ezinqwenelekayo; Kuba ibona iintlanga zingene engcweleni yayo, Owawuwise umthetho wena, ukuba zingangeni ebandleni lakho.
Bonke abantu bayo bayancwina, befuna isonka; Barhole izinto zabo ezinqwenelekayo ngenxa yesonka, ukuze bawubuyise umphefumlo; Bona, Yehova, ukhangele, ukuba ndisuke ndacukucezeka.
Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela? Bhekani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo, Athe uYehova wandenza lusizi ngemini yokuvutha komsindo wakhe.
Engaphezulu, uthume umlilo emathanjeni am, wawanyathela; Uzanekele umnatha iinyawo zam, wandibuyisa umva; Undenze inxuwa, yonke imini ndityhafile.
Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe; Zibhijelene, zenyuka zaba semqaleni wam, zawakhubekisa amandla am; INkosi yam indinikele ezandleni zabo ndingenakumisa kubo.
INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam; Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am. INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini.
Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi, Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam; Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile.
IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli; UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge: IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo.
Ulilungisa uYehova; ngokuba bendiphikise umlomo wakhe. Khanive, nonke zizwe, niwubone umvandedwa wam; Umthinjana wam namadodana am emke nokuthinjwa.
Ndibize izithandane zam, zandikhohlisa zona; Ababingeleli bam, namadoda amakhulu akwam, aphume umphefumlo phakathi komzi, Xa abezifunela ukudla, ukuba abuyise imiphefumlo yawo.
Khangela, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; izibilini zam ziyabila; Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kuphela; Ngaphandle ikrele landihlutha abantwana, ngaphakathi kwakukufa kodwa.
Bandivile ukuba ndiyancwina; ndathi, Andinamthuthuzeli; Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; zinemihlali, ngokuba oko kwenziwe nguwe. Uyayizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke.
Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo, Uziphathe njengoko wandiphatha ngako ngenxa yezikreqo zam zonke; Ngokuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam ityhafile.
2
Yoo! Itheni na iNkosi yam ukuyisibekela kangaka ngomsindo wayo intombi enguZiyon? Isikhuphile ezulwini, yasikhahlela ehlabathini, isihombo sikaSirayeli, Ayasikhumbula isihlalo seenyawo zayo ngemini yomsindo wayo.
INkosi yam iwaginyile, ayawaconga, onke amakriwa akwaYakobi; Izigungxule ngokuphuphuma komsindo wayo iinqaba ezinkulu zentombi enguYuda; Yazizisa emhlabeni; Ibungcolisile ubukumkani nabathetheli babo.
Izixakazile ngokuvutha komsindo wayo zonke iimpondo zikaSirayeli; Isibuyise umva isandla sayo sokunene ebusweni botshaba; Yatshisa kwaYakobi njengomlilo olenyayo, odlayo ngeenxa zonke.
Isityedile isaphetha sayo njengotshaba; imise isandla sayo sokunene, saxelisa esombandezeli, Yazibulala zonke izinto ezinqwenelekayo emehlweni; Ententeni yentombi enguZiyon, ibuphalazile ubushushu bayo njengomlilo.
INkosi yam isuke yaba njengotshaba; imginyile uSirayeli, Iziginyile zonke iingxande zayo ezinde, izonakalisile iinqaba zayo ezinkulu; Yandisa entombini enguYuda uncwino nokukhala.
Iyichithile indawo yayo ebiyiweyo njengomyezo; Iyitshabalalisile indawo yayo yentlangano; UYehova wenze walityalwa eZiyon umthendeleko nesabatha; Wabagiba ekubhavumeni komsindo wakhe ukumkani nombingeleli.
INkosi yam isihlambele isibingelelo sayo, ithe nethe kuyo ingcwele yayo, Izivingcelele esandleni sotshaba iindonga zeengxande zayo ezinde; Baxokozela endlwini kaYehova njengemini yomthendeleko.
UYehova ucinge ukonakalisa udonga lwentombi enguZiyon; Wolule ulutya lokulinganisela, akasibuyisa isandla sakhe ekuginyeni; Wenza ungqameko lomsele lwaba nesijwili, kwanodonga; zithokombisile kunye ezo zinto.
Amasango ayo atshonile emhlabeni; uyitshabalalisile, uyaphule imivalo yayo; Ukumkani wayo nabathetheli bayo basezintlangeni, akukho myalelo; Abaprofeti bayo abafumani mbono kuYehova.
Ahleli emhlabeni ethe cwaka amadoda amakhulu entombi enguZiyon; Azigalele ngomhlaba entloko, abhinqe ezirhwexayo; Uzithobele emhlabeni iintloko zawo umthinjana waseYerusalem.
Amehlo am aphela ziinyembezi, ziyabila izibilini zam, Isibindi sam siphalalele emhlabeni, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu, Ngokutyhafa kwabantwana, nabasemabeleni, ezitratweni zomzi.
Bamana ukuthi koonina, Iphi na ingqolowa newayini? Ekutyhafeni kwabo njengabangxwelerhiweyo ezitratweni zomzi, Ekuziphalazeni kwemiphefumlo yabo esifubeni sonina.
Ndikungqinele, ngantoni na? Ndikufanekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem? Ndikulinganise nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon? Ngokuba kukhulu ngangolwandle ukwaphuka kwakho; ngubani na onokukuphilisa?
Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu; Ababutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho; Bakubonele imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa.
Babetha izandla ngawe bonke abadlula ngendlela; Benza umsondlo, bahlunguzele iintloko ngentombi enguYerusalem, besithi, Ngulo mzi na, lo kuthiwa kuphela kwenzwakazi, yimihlali yehlabathi lonke?
Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo; Zenza umsondlo, zitshixizela amazinyo; zithi, Siyiginyile; Inene, yiyo le imini ebe siyithembile; siyifumene, siyibonile.
Ukwenzile uYehova abekunkqangiyele; Ulizalisile ilizwi lakhe, abeliwisele umthetho kususela kwiimini zamandulo; Ugungxule, akaconga; Wenze lwakuvuyelela utshaba lwakho, Uphakamise uphondo lwababandezeli bakho.
Intliziyo yabo ikhala eNkosini yam; Ludonga lwentombi enguZiyon, mazihle iinyembezi njengomlambo imini nobusuku; Musa ukuyeka, malungaphezi ukhozo lweliso lakho.
Vuka, uhlahlambe ebusuku, ekuqalekeni kwemilindo; Yiphalaze njengamanzi intliziyo yakho ebusweni beNkosi; Ziphakamisele kuyo izandla zakho, ngenxa yomphefumlo wabantwana bakho, Abatyhafileyo kukulamba ekujikeni kwezitrato zonke.
Bona, Yehova, ukhangele, ngubani na lo wenjenje ukumphatha kakubi? Abafazi bangadla isiqhamo somzimba wabo na? Badle abantwana ababathantamisayo na? Angabulawelwa engcweleni yeNkosi na umbingeleli nomprofeti?
Balele emhlabeni phandle oyinkwenkwe noyindoda enkulu; Umthinjana wam namadodana am awile likrele; Ubulele ngemini yomsindo wakho, usikile, akwaconga.
Ukumemile ngokwemini yomthendeleko ukunxunguphala kwam ngeenxa zonke, Akwabakho usindayo, usalayo, ngemini yomsindo kaYehova. Endibathantamisileyo ndabakhulisa, utshaba lwam lubagqibele.
3
Ndim indoda ebone iintsizi, ngentonga yokuphuphuma komsindo wakhe.
Undikhokele wandihambisa ebumnyameni, akwaba sekukhanyeni.
Ubuye wasiguqulela kum ndedwa isandla sakho imini yonke.
Uyonakalisile inyama yam nolusu lwam; uwaphule amathambo am.
Undakhele wandirhaqa ngenyongo nendiniso.
Undibele ezindaweni ezimnyama, njengabafe ngonaphakade.
Undibiyele ngeenxa zonke, andinakuphuma; uwenze aba nzima amakhamandela am obhedu.
Noko ndikhalayo, ndizibikayo, uyawuvingcela umthandazo wam.
Uzibiyele iindlela zam ngamatye aqingqiweyo, uzenze goso iingqushu zam.
Kum uyibhere elalelayo, uyingonyama esezintsithelweni.
Uzityekisile iindlela zam, wandidlavula; undenze inxuwa.
Usigobile isaphetha sakhe, wandimisa ndaba yitekeni yotolo lwakhe.
Uzise ezintsweni zam iintolo zomphongolo wakhe.
Ndisuke ndayintlekisa kubantu bonke bakowethu; ndiyingoma yabo imini yonke.
Undihluthise ngeento ezikrakra, wandiseza ndahlutha umhlonyane.
Uwaphule ngohlalu amazinyo am; undixinzelele phantsi eluthuthwini.
Uwuhlambile umphefumlo wam, awaba naluxolo; ndiyilibele into elungileyo.
Ndathi, aphelile amandla am, nokulinda kwam kuYehova.
Zikhumbule iintsizi zam, nokutshutshiswa kwam, umhlonyane nenyongo.
Umphefumlo wam uyazikhumbula unangoku ezo zinto, usibekekile kum.
Oko ndikunyamekele ngentliziyo: ngenxa yoko ndilindile.
Kungeenceba zikaYehova le nto singagqityelwanga, ngokuba azipheli iimfesane zakhe.
Zintsha imiso ngemiso; kukhulu ukuthembeka kwakhe.
Isabelo sam nguYehova, utsho umphefumlo wam; ngenxa yoko ndilindele kuye.
UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo.
Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.
Kuyilungele indoda ukuba iyithwale idyokhwe kwasebutsheni bayo.
Mayihlale yodwa ithe cwaka, xa iyithwalisiweyo.
Mayiwubeke eluthulini umlomo wayo; kungabakho ithemba mhlawumbi.
Mayisinikele isidlele sayo koyibethayo; mayihluthe yingcikivo.
Ngokuba iNkosi yam ayiyi kumhlamba umntu ngonaphakade,
Ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo.
Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibenze babe nosizi oonyana babantu.
Ekutyunyuzweni kwababanjiweyo bonke behlabathi phantsi kweenyawo;
Ekulijikeni ityala lomfo phambi kobuso bOsenyangweni;
Ekuphenulweni komntu ekubambaneni kwakhe nomnye: iNkosi yam ayiboni na?
Ngubani na okhe wathetha, kwenzeka, iNkosi yam ingawisanga mthetho?
Akuphumi okubi nokulungileyo emlonyeni wOsenyangweni na?
Yini na ukuba umntu akhalaze ephilile? Umfo makakhalaze ngenxa yezono zakhe.
Masiziphengulule iindlela zethu, sizigocagoce, sibuyele kuYehova.
Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizise kuThixo emazulwini.
Thina sikreqile saba neenkani; wena akuxolelanga.
Uzigqubuthele ngomsindo, wasisukela; ubulele akwaconga.
Uzigqubuthele ngelifu, ukuze ungaphumeli umthandazo wethu.
Usenze inkunkuma, imvuthuluka esazulwini sezizwe.
Zisakhamisele umlomo wazo zonke iintshaba zethu.
Kokwethu ukunkwantya, nomgongxo, nesibatha, nokutshabalala, nokwaphuka.
Iliso lam lihla imijelo yamanzi, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu.
Iliso lam liyatyityizela, aliyeki, alinqamki,
Ade aqondele abone uYehova, esemazulwini.
Iliso lam liyawubulala umphefumlo wam, ngenxa yeentombi zonke zomzi wakowethu.
Zindizingele zandizingela njengentaka iintshaba zam ngelize.
Zibubhangisile ubomi bam ngokundeyelisela emhadini, zandigibisela ngamatye.
Amanzi ahambe phezu kwentloko yam, ndathi, Ndinqanyulwe.
Ndinqule igama lakho, Yehova, kongaphantsi umhadi.
Izwi lam waliva; musa ukuyifihla indlebe yakho ekubefuzeni kwam, ekuzibikeni kwam.
Wasondela ngemini yokukunqula kwam, wathi, Musa ukoyika.
Uwathethile amatyala omphefumlo wam, Nkosi yam; ubukhulule ubomi bam ngokubumisela.
Ukubonile, Yehova, ukuphenulwa kwam; ligwebe ityala lam.
Uyibonile yonke impindezelo yabo, uzivile zonke iingcinga zabo ngam.
Ukuvile ukungcikiva kwabo, Yehova, uzivile zonke iingcinga zabo ngam,
Umlomo wabo basukela phezulu kum, nezicamango zabo ngam yonke imini.
Ukuhlala kwabo nokusuka kwabo kubheke; ndiyingoma yabo.
Babuyisele imbuyekezo, Yehova, ngokwezenzo zezandla zabo.
Banike ubumfama bentliziyo; intshwabulo yakho mayibe kubo.
Basukele ngomsindo, ubatshabalalise, bangabikho phantsi kwamazulu kaYehova.
4
Yoo! Isuke igolide yaba mncumevu; isuke ecikizekileyo, elungileyo, yaba yeyimbi; Asuke aphalazwa amatye engcwele ekujikeni kwezitrato zonke.
AbeZiyon abanqabileyo, abamelwe yigolide engcwengiweyo, Yoo! Babalelwa ekubeni yimiphanda yodongwe, umsebenzi wezandla zombumbi.
Kanti neempungutye ziyalirhola ibele, zanyise amathole azo; Ke yona intombi yabantu bakowethu isuke yaba sisijorha, njengenciniba entlango.
Ulwimi losebeleni lunamathela ekhuhlangubeni lakhe linxano; Abantwana bacela isonka, akukho ubaphulelayo.
Ababesidla ubuncwane baphanzile ezitratweni; Ababephathwa ngeengubo ezibomvu bawola amazala.
Bukhulile ubugwenxa bentombi yakowethu ngaphezu kwesono seSodom, Yona yabhukuqwayo ngephanyazo, kungasiwanga sandla kuyo.
Babeqaqambile ababalulekileyo bayo ngaphezu kwekhephu; baye bemhlophe ngaphezu kwamasi; Babeyingqombela imizimba ngaphezu kwekorale, isibili sabo besinjengesafire;
Imbonakalo yabo imnyama ngaphezu kocolothi; Abanakaneki ezitratweni; ulusu lwabo lutshele emathanjeni abo; lomile, lwanjengokhuni.
Baneyhweba ababulewe ngekrele kunababulewe yindlala, Bona baphelayo ngokubulawa kukungabikho kweziqhamo zamasimi.
Izandla zabafazi abanemfesane zipheke abantwanana babo, Baba kukudla kwabo ekwaphukeni kwentombi yabantu bakowethu.
Ubuphelelisile ubushushu bakhe uYehova, ukuphalazile ukuvutha komsindo wakhe; Wafaka umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.
Bebengenakukholwa ookumkani behlabathi, nabemi bonke belimiweyo, Ukuba ubengangenayo umbandezeli notshaba emasangweni aseYerusalem.
Kungenxa yezono zabaprofeti bayo, nobugwenxa bababingeleli bayo, Abaphalaze igazi lamalungisa phakathi kwayo.
Baphamzela beziimfama ezitratweni, bedyobhekile ligazi, Bada abantu ababa nakuchukumisa nezambatho zabo.
Sukani, nantso inqambi! Kwatshiwo ukumenyezwa kubo. Sukani, sukani, musani ukuphatha! Bakusaba, baphamzela nalapho, kwathiwa phakathi kweentlanga, Mabangaphindi baphambukele khona.
Ubuso bukaYehova bubachithachithile, akasayi kubabheka; Ubuso bababingeleli ababubhekanga, amadoda amakhulu abawababalanga.
Thina, amehlo ethu ayaphela, ekhangele uncedo olungamampunge; Ekuboniseleni kwethu sibonisela uhlanga olungayi kusisindisa.
Bazingela amanyathela ethu, ukuze singabi nakuhamba ezitratweni zethu; Kusondele ukuphela kwethu, izalisekile imihla yethu; ewe, kufikile ukuphela kwethu.
Abasisukelayo banamendu ngaphezu kwamaxhalanga asezulwini; Basisukela ezintabeni ngokushushu, basilalela entlango.
Umoya wamathatha ethu, umthanjiswa kaYehova, ubanjisiwe emihadini yabo: Lowo besisithi, Siya kuhlala phantsi komthunzi wakhe ezintlangeni.
Yiba nemihlali uvuye kambe, ntombi yakwaEdom, ihleliyo ezweni lakwaUtse; Iya kudlulela nakuwe indebe; uya kunxila, uzihlube.
Bugqityiwe ubugwenxa bakho, ntombi inguZiyon; Akayi kuphinda akufuduse; Uya kubuvelela ubugwenxa bakho, ntombi yakwaEdom. Uya kuzityhila izono zakho.
5
Kukhumbule, Yehova, okusihleleyo; Bheka, uyibone ingcikivo yethu.
Ilifa lethu lisuke lenziwa elabasemzini, Izindlu zethu zalunga kwabolunye uhlanga.
Siziinkedama, asinabawo; Oma banjengabahlolokazi.
Amanzi ethu siwasela ngesilivere; Iinkuni zethu ziza kuthi ngexabiso.
Intshutshiso iphezu kwentamo yethu; Sidiniwe, asinakuphumla.
Isandla sisinika amaYiputa, Nama-Asiriya, ukuba sihluthe sisonka.
Oobawo bonile, abasekho; Thina sithwele ubugwenxa babo.
Silawulwa ngabakhonzi; Akukho usiqhiwulayo ezandleni zabo.
Isonka sethu sisizuza ngomphefumlo wethu usisichenge. Ngenxa yekrele lasentlango.
Ulusu lwethu luyavutha njengeziko Ngenxa yolophu lwendlala.
Badlwengule abafazi eZiyon, Iintombi emizini yakwaYuda.
Baxhome abathetheli ngezandla; Ubuso bamadoda amakhulu abubekwa.
Amadodana athwala amatye okusila, Amakhwenkwe akhubeka phantsi kweenkuni.
Amadoda amakhulu aphezile ukuya esangweni; Amadodana, ekubetheni uhadi.
Iphelile imihlali yentliziyo yethu, Ukuqamba kwethu kujike kwaba kukumbambazela.
Siwile isithsaba entlokweni yethu; Yeha ke thina! kuba sonile.
Ngenxa yoko ityhafile intliziyo yethu; Ngenxa yezo zinto amnyama amehlo ethu;
Ngenxa yentaba yaseZiyon, kuba ibharhile, Kuhamba iimpungutye phezu kwayo.
Wena, Yehova, uhleli ngonaphakade; Itrone yakho ikwisizukulwana ngesizukulwana.
Yini na ukuba usilibale ngonaphakade, Usilahle imihla emide?
Sibuyisele kuwe, Yehova; sobuya; Hlaziya imihla yethu njengokwamandulo.
Ungaba usicekise mpela na, Wanoburhalarhume kuthi ngokukhulukazi na?
- License
-
CC-0
Link to license
- Citation Suggestion for this Edition
- TextGrid Repository (2025). Christos Christodoulopoulos. Lamentations (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3BC-8