Revelation (Xhosa)
1
1:1b.REV.001.001 Isityhilelo sikaYesu Kristu, awamnika sona uThixo, ukuba ababonise abakhonzi bakhe izinto ezimele ukubakho kamsinya; waqondisa wathumela ngaso isithunywa sakhe sasemazulwini kumkhonzi wakhe uYohane,
1:2b.REV.001.002 owalingqinelayo ilizwi likaThixo nobungqina bukaYesu Kristu, kwaneento zonke awazibonayo.
1:3b.REV.001.003 Unoyolo lowo uwalesayo, kwanabo bawevayo amazwi aso isiprofeto esi, bazigcine izinto ezibhaliweyo kuso; kuba ixesha likufuphi.
1:4b.REV.001.004 UYohane ubhalela amabandla asixhenxe akwelaseAsiya; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kulowo ukhoyo, wayekho, uzayo; nakubo ooMoya abasixhenxe abaphambi kwetrone yakhe;
1:5b.REV.001.005 nakuYesu Kristu, oliNgqina elithembekileyo, Owamazibulo kubo abafileyo, uMphathi wookumkani bomhlaba. Kulowo wasithandayo, wasikhulula ezonweni zethu ngelilelakhe igazi,
1:6b.REV.001.006 wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo uYise: kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
1:7b.REV.001.007 Yabonani, uza namafu; aye eya kumbona amehlo onke, kwanabo bamhlabayo; zaye ziya kummbambazelela zonke izizwe zomhlaba. Ewe, amen.
1:8b.REV.001.008 Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; itsho iNkosi, leyo ikhoyo, yayikho, izayo, uSomandla.
1:9b.REV.001.009 Mna Yohane, endikwangumzalwana wenu, nedlelane nani ngayo imbandezelo, nangabo ubukumkani, nangonyamezelo lukaYesu Kristu, ndaye ndisesiqithini ekuthiwa yiPatmos, ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina bukaYesu Kristu.
1:10b.REV.001.010 Ndaye ndikuMoya ngemini eyeyeNkosi; ndeva emva kwam izwi elikhulu, ngathi lelexilongo,
1:11b.REV.001.011 lisithi, Mna ndinguAlfa no-Omega, owokuqala nowokugqibela. Okubonayo kubhale encwadini ukuthumele kuwo amabandla asixhenxe aseAsiya: e-Efese, eSmirna, ePergamo, eTiyatira, eSardesi, eFiladelfi, eLawodike.
1:12b.REV.001.012 Ndaza ndee guququ, ukuba ndilibone ilizwi elo belithetha nam. Ndithe guququ ke, ndabona iziphatho zezibane zegolide zisixhenxe;
1:13b.REV.001.013 naphakathi kweziphatho zosixhenxe ezo, ofana noNyana woMntu, ambethe ingubo efike ezinyaweni, ebhinqe emabeleni umbhinqo wegolide.
1:14b.REV.001.014 Intloko yakhe ke neenwele zimhlophe, njengoboya bezimvu obumhlophe njengekhephu; amehlo akhe enjengelangatye lomlilo;
1:15b.REV.001.015 iinyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo, zingathi zivuthiswe eziko; izwi lakhe ngathi sisandi samanzi amaninzi.
1:16b.REV.001.016 Waye eneenkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe sokunene; emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, elintlangothi mbini; ubuso bakhe bunjengelanga, likhanya ngamandla alo.
1:17b.REV.001.017 Ndithe ndakumbona, ndasuka ndawa ezinyaweni zakhe, ndaba njengofileyo. Waza wabeka isandla sakhe sokunene phezu kwam, esithi kum, Musa ukoyika; mna ndingowokuqala nowokugqibela, ndinguye odla ubomi;
1:18b.REV.001.018 ndaye ndifile; yabona, ndingobudlayo ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. Ndinazo nezitshixo zelabafileyo nezokufa.
1:19b.REV.001.019 Zibhale izinto ozibonileyo, nezikhoyo, kwaneziya kubakho emva kwezo.
1:20b.REV.001.020 Imfihlakalo yeenkwenkwezi ezisixhenxe ozibonileyo esandleni sam sokunene, neziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, yile: Iinkwenkwezi ezo zisixhenxe zizithunywa zawo amabandla asixhenxe; neziphatho ezo zisixhenxe uzibonileyo ngamabandla osixhenxe.
2
2:1b.REV.002.001 Isithunywa sebandla elise-Efese, sibhalele uthi: Utsho lowo uzibambileyo iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesokunene sakhe, lowo uhambayo phakathi kweziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, ukuthi:
2:2b.REV.002.002 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nokubulaleka kwakho, nomonde wakho, nokuba ungenako ukubathwala abanobubi; nokuba wabalinga abathi bangabapostile, bengengabo, wabafumana bengamaxoki.
2:3b.REV.002.003 Uthwele, unomonde; uthe ngenxa yegama lam wabulaleka, akwadinwa.
2:4b.REV.002.004 Noko ke ndinale nto ngakuwe, yokuba uthando lwakho lokuqala walushiyayo.
2:5b.REV.002.005 Khumbula ngoko apho uwe usuka khona, uguquke, wenze imisebenzi yokuqala; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndisishenxise isiphatho sesibane sakho endaweni yaso, ukuba akuthanga uguquke.
2:6b.REV.002.006 Kodwa unale ndawo, yokuba uyithiyile imisebenzi yamaNikolawo, endiyithiyileyo nam.
2:7b.REV.002.007 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuthi adle kumthi wobomi, ophakathi kweParadisi kaThixo.
2:8b.REV.002.008 Isithunywa sebandla eliseSmirna, sibhalele uthi: Utsho lowo ungowokuqala, ungowokugqibela, owayefile, waza wabuya wadla ubomi, ukuthi:
2:9b.REV.002.009 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana.
2:10b.REV.002.010 Musa ukoyika nabunye ubunzima oza kubuva. Yabona, uMtyholi uza kuyiphosa inxenye yenu entolongweni, ukuze nilingwe: niya kuba nembandezelo imihla elishumi; thembeka kude kube sekufeni, ndokunika isithsaba sobomi.
2:11b.REV.002.011 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo akayi kukha oniwe kukufa kwesibini.
2:12b.REV.002.012 Isithunywa sebandla elisePergamo, sibhalele uthi: Utsho lowo unalo ikrele elintlangothi mbini, elibukhali, ukuthi:
2:13b.REV.002.013 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nalapho uhleli khona, apho ikhona itrone kaSathana; nokuba ulibambe waliqinisa igama lam, akwakukhanyela ukukholwa kum, nasemihleni uAntipasi, owabulawelwa kuni, apho ahleli khona uSathana, wayelingqina lam elithembekileyo.
2:14b.REV.002.014 Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba unabo apho abayibambe bayiqinisa imfundiso kaBhileham, owamfundisayo uBhalaki ukuphosa isikhubekiso phambi koonyana bakaSirayeli, ukuba badle izinto ezibingelelwe izithixo, benze nombulo.
2:15b.REV.002.015 Ngokunjalo nawe unabayibambe bayiqinisa imfundiso yamaNikolawo, into leyo endiyithiyileyo.
2:16b.REV.002.016 Guquka, okanye ndoza kuwe kamsinya, ndenze imfazwe nabo ngalo ikrele lomlomo wam.
2:17b.REV.002.017 Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuyo imana efihlakeleyo, ndimnike ilitye elimhlophe; elityeni apho ke igama elitsha libhaliwe, lingaziwa bani ingenguye olamkelayo.
2:18b.REV.002.018 Isithunywa sebandla eliseTiyatira, sibhalele uthi: Utsho uNyana kaThixo, omehlo akhe anjengelangatye lomlilo, onyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo, ukuthi:
2:19b.REV.002.019 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nothando, nolungiselelo, nokholo, nomonde wakho, nokuba imisebenzi yakho yokugqibela imininzi kuneyokuqala.
2:20b.REV.002.020 Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba umvumela umfazi lowo uIzebhele, othi yena ungumprofetikazi, ukuba abafundise abalahlekise abakhonzi bam, ukuba benze umbulo, badle izinto ezibingelelwe izithixo.
2:21b.REV.002.021 Ndamnika ixesha lokuba aguquke kuwo umbulo wakhe, akaguquka.
2:22b.REV.002.022 Yabona, mna ndiya kumphosa elukhukweni, nabo bakrexeza kunye naye, embandezelweni enkulu, ukuba abathanga baguquke emisebenzini yabo;
2:23b.REV.002.023 nabantwana bakhe ndibabulale ngokufa; azi onke amabandla ukuba mna ndingulowo uphengulula izintso neentliziyo, ndininike elowo ngokwemisebenzi yenu.
2:24b.REV.002.024 Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenayo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana (njengoko batshovo): andiyi kuphosa phezu kwenu mthwalo wumbi.
2:25b.REV.002.025 Noko ke oko ninako kubambeni nikuqinise, ndide ndifike.
2:26b.REV.002.026 Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kwazo iintlanga.
2:27b.REV.002.027 Uya kuzalusa ngentonga yentsimbi, njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo;
2:28b.REV.002.028 ndiya kumnika ikhwezi lokusa.
2:29b.REV.002.029 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
3
3:1b.REV.003.001 Isithunywa sebandla eliseSardesi, sibhalele uthi: Utsho lowo unabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo, nazo iinkwenkwezi ezisixhenxe, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba unalo igama lokuba uphilile, ukanti ufile.
3:2b.REV.003.002 Phapha, uzizimase izinto eziseleyo eziza kufa; kuba andiyifumananga izalisekile imisebenzi yakho phambi koThixo.
3:3b.REV.003.003 Khumbula ngoko ukuba utheni na ukwamkela kwakho, nokuva, ugcine, uguquke. Ukuba ngoko akuthanga ulinde, ndokufikela njengesela; akusayi kulazi ilixa endokufikela ngalo.
3:4b.REV.003.004 Unamagama ambalwa naseSardesi apho, angazidyobhanga wona iingubo zawo; baya kuhamba nam benezimhlophe; ngokuba befanelekile.
3:5b.REV.003.005 Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini.
3:6b.REV.003.006 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
3:7b.REV.003.007 Isithunywa sebandla eliseFiladelfi, sibhalele uthi: Utsho oyiNgcwele, oyiNyaniso, lowo unaso isitshixo sikaDavide; lowo uvulayo kungavali namnye, avale kungavuli namnye, ukuthi:
3:8b.REV.003.008 Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba uthe, unamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam.
3:9b.REV.003.009 Yabona, ndinika abesikhungu sikaSathana, abathi bangamaYuda bona, bengengawo, bexoka; yabona, ndiya kubenza beze baqubude phambi kweenyawo zakho, bazi ukuba mna ndikuthandile.
3:10b.REV.003.010 Ngokuba waligcina ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.
3:11b.REV.003.011 Yabona, ndiza kamsinya; kubambe ukuqinise onako, ukuze kungabikho namnye usithabathayo isithsaba sakho.
3:12b.REV.003.012 Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam. Akayi kuba saphuma phandle; ndaye ndiya kulibhalela phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, iYerusalem entsha, ehla emazulwini ivela kuThixo wam, negama lam elitsha.
3:13b.REV.003.013 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
3:14b.REV.003.014 Isithunywa sebandla eliseLawodike, sibhalele uthi: Utsho uAmen, ingqina elithembekileyo, eliyinyaniso, ingqalo yayo indalo kaThixo, ukuthi:
3:15b.REV.003.015 Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba ububanda, akwaba ubushushu.
3:16b.REV.003.016 Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.
3:17b.REV.003.017 Ngokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba ze;
3:18b.REV.003.018 ndiyakucebisa, ukuba uthenge kum igolide evuthiswe emlilweni, ukuze ube nobutyebi; neengubo ezimhlophe, ukuze wambeswe, lingabonakali ihlazo lobuze bakho; nentambiso yamehlo, uthambise amehlo akho, ukuze ubone.
3:19b.REV.003.019 Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe; zondelela ngoko uguquke.
3:20b.REV.003.020 Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam.
3:21b.REV.003.021 Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisayo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe.
3:22b.REV.003.022 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
4
4:1b.REV.004.001 Emva koko ndabona, nango umnyango uvulekile emazulwini; ilizwi lokuqala endalivayo lalinjengexilongo, lithetha nam, lisithi, Nyukela apha, ndokubonisa iinto ezimele ukubakho emva kwezi.
4:2b.REV.004.002 Ndithe kwaoko ke ndaba kuMoya; nanko kumi itrone emazulwini, phezu kwetrone kukho ohleliyo.
4:3b.REV.004.003 Waye lowo uhleliyo, ukubonakala kwakhe, efana nelitye leyaspisi nelesardiyo; waye umnyama wenze isangqa etroneni apho, ufana nelesmarado ukubonakala kwawo.
4:4b.REV.004.004 Kwaye kwenze isangqa etroneni apho iitrone ezimashumi mabini anane; phezu kweetrone ezo ndabona amadoda amakhulu amashumi mabini anamane, ehleli, ethiwe wambu ngeengubo ezimhlophe, enezithsaba zegolide entloko.
4:5b.REV.004.005 Nasetroneni apho kuphuma imibane, neendudumo, nezandi; kuvutha izibane zomlilo ezisixhenxe phambi kwetrone, ezingabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo.
4:6b.REV.004.006 Phambi kwetrone kukho ulwandle lwegilasi, lufana nomkhenkce. Esazulwini setrone apho, nasesangqeni setrone, kukho izinto eziphilileyo ezine, zizele ngamehlo ngaphambili nangasemva.
4:7b.REV.004.007 Eyokuqala into ephilileyo ifana nengonyama; eyesibini into ephilileyo ifana nethole; eyesithathu into ephilileyo inobuso obungathi bobomntu; eyesine into ephilileyo ifana nokhozi luphaphazela.
4:8b.REV.004.008 Zaye zone izinto eziphilileyo ezo, iyileyo naleyo, zinamaphiko ngamathandathu ngeenxa zonke, nangaphakathi zizele ngamehlo; zingaphumli imini nobusuku, zisithi: Ingcwele, ingcwele, ingcwele INkosi uThixo uSomandla, Leyo yayikho, ikhoyo, izayo.
4:9b.REV.004.009 Xa zithi izinto eziphilileyo zibe zimnika uzuko nembeko nombulelo lowo uhleli etroneni, lowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni,
4:10b.REV.004.010 asuka awe amadoda amakhulu, amashumi mabini anamane, phambi kwalowo uhleli etroneni, aqubude kulowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, aphose izithsaba zawo phambi kwetrone, esithi:
4:11b.REV.004.011 Ufanele, Nkosi, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla; Ngokuba inguwe owadala zonke izinto, Nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.
5
5:1b.REV.005.001 Ndabona, esandleni sokunene salowo uhleli etroneni, incwadi ibhalwe ngaphakathi nangaphandle, itywinwe ngamatywina asixhenxe.
5:2b.REV.005.002 Ndabona isithunywa sezulu esomeleleyo, sivakalisa ngezwi elikhulu, sisithi, Ngubani na ofanele ukuyivula incwadi, nokuwanqika amatywina ayo?
5:3b.REV.005.003 Akabakho namnye ezulwini, naphezu komhlaba, nangaphantsi komhlaba, unako ukuyivula incwadi, nokuyikhangela oku.
5:4b.REV.005.004 Ndandilila kakhulu mna, ngokuba kungafunyanwanga namnye ufanele ukuyivula nokuyilesa incwadi, nokuyikhangela oku.
5:5b.REV.005.005 Yathi enye indoda enkulu kum, Musa ukulila; yabona, iNgonyama yesizwe sakwaYuda, iNgcambu kaDavide, ikweyisile ukuyivula incwadi, nokuwanqika amatywina ayo asixhenxe.
5:6b.REV.005.006 Ndabona, nantso, esazulwini setrone nesezinto eziphilileyo zone, nasesazulwini samadoda amakhulu, iMvana engathi ixheliwe, imi ineempondo ezisixhenxe, namehlo asixhenxe angooMoya bosixhenxe bakaThixo, abathunyelwe emhlabeni wonke.
5:7b.REV.005.007 Yeza, yayithabatha incwadi esandleni sokunene salowo uhleli etroneni.
5:8b.REV.005.008 Yathi yakuyithabatha incwadi, izinto eziphilileyo zone, namadoda amakhulu angamashumi mabini anamane, awa phambi kweMvana, iyileyo inohadi, nengqayi yegolide izele ziziqhumiso, eziyiyo imithandazo yabangcwele.
5:9b.REV.005.009 Avuma ingoma entsha, esithi: Ufanele ukuyithabatha incwadi, nokuwavula amatywina ayo; Ngokuba wena waxhelwa, wasithenga ukuba sibe ngabakaThixo ngalo igazi lakho, Siphuma kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, neentlanga;
5:10b.REV.005.010 Wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo wethu; Sasiya kuba ngookumkani phezu komhlaba.
5:11b.REV.005.011 Ndabona, ndeva izwi lezithunywa zezulu ezininzi, zenze isangqa etroneni, nezinto eziphilileyo, nawo amadoda amakhulu: laye inani lawo lizizigidi zezigidi;
5:12b.REV.005.012 besithi ngezwi elikhulu: Kuyifanele iMvana eyaxhelwayo ukwamkela amandla, Nobutyebi, nobulumko, nokomelela, nembeko, nozuko, nokubongwa.
5:13b.REV.005.013 Kananjalo zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba, naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi: Kulowo uhleli etroneni, nakuyo iMvana, Makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla, Kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
5:14b.REV.005.014 Izinto eziphilileyo zone zathi, Amen. Aza amadoda amakhulu aqubuda.
6
6:1b.REV.006.001 Ndabona, xa iMvana yalivulayo elinye lamatywina, ndeva enye kuzo izinto eziphilileyo zone, isithi, ngathi kungesandi sokududuma, Yiza ubone.
6:2b.REV.006.002 Ndabona, nalo ihashe elimhlophe; lowo ke wayehleli phezu kwalo enesaphetha; wanikwa isithsaba, waphuma eseyisa, nokuze eyise.
6:3b.REV.006.003 Xa yalivulayo elesibini itywina, ndeva eyesibini into ephilileyo isithi, Yiza ubone.
6:4b.REV.006.004 Kwaphuma elinye ihashe, libomvu; lowo ke wayehleli phezu kwalo wanikwa igunya lokulususa uxolo emhlabeni, nokuze basikane, wanikwa ikrele elikhulu.
6:5b.REV.006.005 Xa yalivulayo elesithathu itywina, ndeva eyesithathu into ephilileyo isithi, Yiza ubone. Ndabona, nalo ihashe elimnyama; lowo ke wayehleli phezu kwalo ubenesikali sokulinganisa esandleni sakhe.
6:6b.REV.006.006 Ndeva izwi esazulwini sezinto eziphilileyo zone, lisithi, Ibhekile yengqolowa iya kudla idenariyo, neebhekile ezintathu zerhasi zidle idenariyo, ioli newayini uze ungayoni.
6:7b.REV.006.007 Xa yalivulayo elesine itywina, ndeva izwi lento ephilileyo yesine lisithi, Yiza ubone.
6:8b.REV.006.008 Ndabona, nalo ihashe eliluthuthu; lowo ke wayehleli phezu kwalo enguKufa igama lakhe, nelabafileyo lilandelelana naye. Banikwa igunya lokubulala kwisahlulo sesine somhlaba ngekrele, nangendlala, nangokufa, nangawo amarhamncwa omhlaba.
6:9b.REV.006.009 Xa yalivulayo elesihlanu itywina, ndayibona ngaphantsi kwesibingelelo imiphefumlo yabo babesikwe ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina ababenabo.
6:10b.REV.006.010 Baye bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi, Koda kube nini na, Mnini-nto-zonke oyingcwele, oyinyaniso, ungagwebi, ungaliphindezeleli igazi lethu kubo abemiyo phezu komhlaba?
6:11b.REV.006.011 Banikwa bonke ngabanye iingubo ezinde ezimhlophe; kwathiwa kubo, basaya kuphumla ixesha elincinane, bade bazaliseke nabangabakhonzi nabo, nabazalwana babo, abaza kubulawa kwanjengabo.
6:12b.REV.006.012 Ndabona, xa yalivulayo elesithandathu itywina, nanko, kubakho unyikimo lomhlaba olukhulu, lathi ilanga laba mnyama, njengengubo erhwexayo yoboya; yathi inyanga yaba njengegazi;
6:13b.REV.006.013 zathi iinkwenkwezi zezulu zawela emhlabeni, njengokuba umkhiwane uvuthulula amakhiwane awo atshazileyo, wakuzanyazanyiswa ngumoya omkhulu.
6:14b.REV.006.014 Lathi izulu lafingeka, njengencwadi esongiweyo; zathi iintaba zonke neziqithi zasuswa ezindaweni zazo.
6:15b.REV.006.015 Bathi ookumkani bomhlaba, namanene, nezityebi, nabathetheli-waka, nabanamandla, namakhoboka onke, nabakhululekileyo bonke, bazifihla emiqolombeni nasemaweni eentaba.
6:16b.REV.006.016 Bathi kwiintaba nakumawa, Siweleni, nisifihle ebusweni balowo uhleli phezu kwetrone, nasengqumbeni yeMvana;
6:17b.REV.006.017 ngokuba ufikile umhla omkhulu wengqumbo yayo; ngubani na ke onako ukuma?
7
7:1b.REV.007.001 Emva koko ndabona izithunywa zezulu zizine, zimi ezimbombeni zone zomhlaba, zibambe imimoya yomine yomhlaba, ukuze kungavuthuzi moya phezu komhlaba, naphezu kolwandle, naphezu kwemithi yonke.
7:2b.REV.007.002 Ndabona esinye isithunywa sezulu, sinyuka sivela empumalanga, sinetywina likaThixo ophilileyo. Sadanduluka ngezwi elikhulu: kuzo izithunywa zezulu zozine, ezanikwa igunya lokuwonakalisa umhlaba nolwandle,
7:3b.REV.007.003 sisithi, Musani ukuwona umhlaba, nolwandle, nemithi, side sibatywine abakhonzi boThixo wethu emabunzini abo.
7:4b.REV.007.004 Ndaliva inani labo babetywiniwe: kwatywinwa ikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, kuzo zonke izizwe zoonyana bakaSirayeli.
7:5b.REV.007.005 Esizweni sakwaYuda kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaRubhen kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaGadi kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
7:6b.REV.007.006 Esizweni sakwa-Ashere kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaNafetali kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaManase kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
7:7b.REV.007.007 Esizweni sakwaSimon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaLevi kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaIsakare kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
7:8b.REV.007.008 Esizweni sakwaZebhulon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaYosefu kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaBhenjamin kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
7:9b.REV.007.009 Emva koko ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo,
7:10b.REV.007.010 bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi: Usindiso kuye uThixo wethu, Lowo uhleli phezu kwetrone, Nakuyo iMvana!
7:11b.REV.007.011 Zaye zonke izithunywa zezulu zimi, zenze isangqa etroneni, nakuwo amadoda amakhulu, nakuzo izinto eziphilileyo zone, zawa phambi kwetrone ngobuso bazo, zaqubuda kuye uThixo,
7:12b.REV.007.012 zisithi: Amen, Ukubongwa, nozuko, nobulumko, Nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela, Makube kuye uThixo wethu, Kuse emaphakadeni asemaphakadeni! Amen.
7:13b.REV.007.013 Yaphendula enye indoda enkulu, isithi kum, Aba bathiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe bangoobani na? bevela phi na?
7:14b.REV.007.014 Ndithi kuyo, Nkosi, nguwe owaziyo. Yathi kum, Aba ngabaphumayo embandezelweni enkulu, bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana.
7:15b.REV.007.015 Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo.
7:16b.REV.007.016 Abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; aliyi kubawela nelanga, nabunye ubushushu;
7:17b.REV.007.017 ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalusa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi; waye uThixo eya kuzisula iinyembezi zonke emehlweni abo.
8
8:1b.REV.008.001 Xa yalivulayo elesixhenxe itywina, kwabakho ukuzola ezulwini, kwangathi sisiqingatha seyure.
8:2b.REV.008.002 Ndazibona izithunywa zezulu ezisixhenxe, ezimayo phambi koThixo; zaza zanikwa amaxilongo asixhenxe.
8:3b.REV.008.003 Seza esinye isithunywa, sema esibingelelweni, sinesiqhumiselo segolide, sanikwa iziqhumiso zazininzi, ukuze sizinikele, kunye nemithandazo yabangcwele bonke, phezu kwesibingelelo segolide esiphambi kwetrone.
8:4b.REV.008.004 Wenyuka ke umsi weziqhumiso, kunye nemithandazo yabangcwele, ephuma esandleni sesithunywa sezulu, waya emehlweni kaThixo.
8:5b.REV.008.005 Sathi isithunywa sasithabatha isiqhumiselo eso, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima.
8:6b.REV.008.006 Zaza izithunywa ezisixhenxe ezinamaxilongo osixhenxe, zazilungiselela ukuba zivuthele amaxilongo.
8:7b.REV.008.007 Sathi esokuqala isithunywa savuthela ixilongo, kwabakho isichotho nomlilo, ziphithikezwe negazi, zaphoswa emhlabeni; saza isahlulo sesithathu semithi satshiswa, nabo bonke utyani obuluhlaza batshiswa.
8:8b.REV.008.008 Sathi esesibini isithunywa savuthela ixilongo, kwanga kuphoswa intaba enkulu, isitsha ngumlilo, elwandle; saza isahlulo sesithathu solwandle saba ligazi;
8:9b.REV.008.009 safa isahlulo sesithathu sezidalwa eziphilileyo eziselwandle; nesahlulo sesithathu semikhombe sonakaliswa.
8:10b.REV.008.010 Sathi esesithathu isithunywa savuthela ixilongo, kwawa ezulwini inkwenkwezi enkulu, ivutha njengesibane, yawa phezu kwesahlulo sesithathu semilambo, naphezu kwemithombo yamanzi.
8:11b.REV.008.011 Igama lenkwenkwezi leyo kuthiwa nguMhlonyane; saza isahlulo sesithathu samanzi saba ngumhlonyane; yathi into eninzi yabantu yafa ngawo amanzi, ngokuba aba krakra.
8:12b.REV.008.012 Sathi esesine isithunywa savuthela ixilongo, saza sabethwa isahlulo sesithathu selanga, nesahlulo sesithathu senyanga, nesahlulo sesithathu seenkwenkwezi, ukuze isahlulo sesithathu sazo sibe mnyama, sithi isahlulo sesithathu sayo imini singakhanyi, bube njalo nobusuku.
8:13b.REV.008.013 Ndabona, ndeva olunye ukhozi luphaphazela esazulwini samazulu, lusithi ngezwi elikhulu, Yeha! yeha! yeha! abo bemiyo phezu komhlaba, ngawo amazwi aseleyo exilongo lezithunywa ezithathu, ezisaza kuvuthela amaxilongo.
9
9:1b.REV.009.001 Sathi esesihlanu isithunywa savuthela ixilongo; ndabona inkwenkwezi iphuma ezulwini, yawela emhlabeni; sanikwa isitshixo sequla lenzonzobila.
9:2b.REV.009.002 Salivula iqula lenzonzobila. Kwenyuka umsi uphuma equleni apho, njengomsi weziko elikhulu, lamnyama ilanga nesibhakabhaka ngumsi wequla elo.
9:3b.REV.009.003 Emsini apho kwaphuma iinkumbi, ezeza emhlabeni, zanikwa igunya, njengokuba benegunya oonomadudwane bomhlaba.
9:4b.REV.009.004 Kwathiwa kuzo, ize utyani bomhlaba zingaboni, nanye into eluhlaza, nanye into engumthi; ibe ngabantu bodwa, bona abo bangenalo itywina likaThixo emabunzini abo.
9:5b.REV.009.005 Zanikwa igunya lokungababulali, bathuthunjelwe nje kodwa iinyanga ezintlanu; intuthumbo yazo yayinjengentuthumbo yoonomadudwane, xa athe wamhlaba umntu.
9:6b.REV.009.006 Ngaloo mihla abantu baya kukufuna ukufa, bangakufumani; baya kukunqwenela ukufa, kusuke ukufa kusabe kubo.
9:7b.REV.009.007 Iimfano zeenkumbi ezo, zibe zifana namahashe, elungiselwe imfazwe, ezintloko izizithsaba ezifana negolide, nobuso bazo bunjengobuso babantu.
9:8b.REV.009.008 Zaye zineenwele ezingathi ziinwele zamankazana, namazinyo azo engathi ngawengonyama.
9:9b.REV.009.009 Zaye zinezigcina-zifuba ezingathi zizigcina-zifuba zentsimbi, isandi samaphiko azo singathi sisandi seenqwelo zamahashe amaninzi, ebaleka esiya emfazweni.
9:10b.REV.009.010 Zinemisila efana neyoonomadudwane, kukho nezamvila emisileni yazo; igunya lazo lilelokona abantu iinyanga ezintlanu.
9:11b.REV.009.011 Zinokumkani phezu kwazo, usisithunywa senzonzobila, ogama lakhe ngesiHebhere linguAbhadon, ngesiGrike unegama elinguApoliyon.
9:12b.REV.009.012 Owokuqala uyeha udlule; yabona, kuza ooyeha ababini emva koko.
9:13b.REV.009.013 Sathi esesithandathu isithunywa savuthela ixilongo, ndeva izwi liphuma ezimpondweni zone zesibingelelo segolide esisemehlweni kaThixo,
9:14b.REV.009.014 lisithi kwisithunywa sesithandathu esasinexilongo, Zikhulule izithunywa ezine ezikhonkxwe emlanjeni omkhulu ongumEfrati.
9:15b.REV.009.015 Zaza zakhululwa izithunywa zozine, ezazilungiselwe ilixa nemini nenyanga nomnyaka, ukuze zibulale isahlulo sesithathu sabantu.
9:16b.REV.009.016 Laye inani lemikhosi yamahashe lizizigidi zezigidi eziphindeke kabini; ndaliva inani layo.
9:17b.REV.009.017 Ndawabona ngokunjalo amahashe embonweni lowo, nabo babehleli phezu kwawo, benezigcina-zifuba ezimlilo, nezimsi, nezisulfure; iintloko zamahashe zingathi ziintloko zeengonyama, emlonyeni wawo kuphuma umlilo, nomsi, nesulfure.
9:18b.REV.009.018 Ngezo nto zontathu sabulawa isahlulo sesithathu sabantu ngomlilo, nangomsi, nangesulfure, ezaphumayo emlonyeni wawo.
9:19b.REV.009.019 Kuba amagunya awo asemlonyeni wawo nasemisileni yawo; kuba imisila yawo ifana neenyoka, ineentloko; ngayo ayonakalisa.
9:20b.REV.009.020 Amasalela abantu, abangabulawanga ngazo ezo zibetho, akaguqukanga emisebenzini yezandla zawo, ukuze angaqubudi kuzo iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezamatye, nezemithi, ezingenako nokubona, nokuva, nokuhamba;
9:21b.REV.009.021 akaguqukanga nasekubulaleni kwawo, nasekukhafuleni kwawo, nasembulweni wawo, nasebuseleni bawo.
10
10:1b.REV.010.001 Ndabona esinye isithunywa sezulu esinamandla, sisihla ezulwini, sithiwe wambu ngelifu; kukho umnyama entloko, ubuso baso bungathi lilanga, iinyawo zaso zingathi ziintsika zomlilo.
10:2b.REV.010.002 Esandleni saso saye sinencwadana ivulekile. Salumisa unyawo lwaso lokunene phezu kolwandle, ke olokhohlo phezu komhlaba;
10:3b.REV.010.003 sadanduluka ngezwi elikhulu, ngathi yingonyama igquma. Sathi sakudanduluka, iindudumo ezisixhenxe zazivakalisa izandi zazo.
10:4b.REV.010.004 Xa iindudumo ezisixhenxe zazivakalisayo izandi zazo, ndandiza kubhala; ndaza ndeva izwi liphuma emazulwini, lisithi kum, Zitywine izinto ezizivakalisileyo iindudumo ezisixhenxe, ungazibhali zona.
10:5b.REV.010.005 Saza isithunywa sezulu, endasibonayo simi phezu kolwandle na phezu komhlaba, sasiphakamisela ezulwini isandla saso,
10:6b.REV.010.006 safunga lowo udla ubomi, ase emaphakadeni asemaphakadeni, owadala izulu nezinto ezikulo, nomhlaba nezinto ezikuwo, nolwandle nezinto ezikulo, ukuthi, Akuyi kuba sabakho xesha.
10:7b.REV.010.007 Ke ngemihla yezwi lesesixhenxe isithunywa sezulu, xa sukuba siza kuvuthela ixilongo, iya kuzaliseka imfihlakalo kaThixo, njengoko wazishumayelayo iindaba ezilungileyo kwabangabakhe abakhonzi, abaprofeti.
10:8b.REV.010.008 Lathi izwi endalivayo liphuma emazulwini, labuya lathetha nam, lisithi, Hamba uye uyithabathe incwadana evulekileyo, esesandleni sesithunywa esimiyo phezu kolwandle naphezu komhlaba.
10:9b.REV.010.009 Ndesuka ke ndaya kwisithunywa eso, ndathi kuso, Ndinike incwadana leyo. Sathi kum, Yithabathe, uyidle uyigqibe; yosenza sibe krakra isisu sakho, kodwa emlonyeni wakho yoba nencasa enjengeyobusi.
10:10b.REV.010.010 Ndayithabatha ke incwadana esesandleni sesithunywa eso, ndayidla ndayigqiba; yaye emlonyeni wam inencasa enjengeyobusi; xa ndayidlayo, saba krakra isisu sam.
10:11b.REV.010.011 Sathi kum, Umele ukuba ubuye uprofete ngabantu, neentlanga, neelwimi, nookumkani, abaninzi.
11
11:1b.REV.011.001 Ndaza ndanikwa ingcongolo, ifana nentonga; saye isithunywa eso simi, sisithi, Suka uyilinganise itempile kaThixo, nesibingelelo, nabo banqulayo bekuyo.
11:2b.REV.011.002 Intendelezo engaphandle kwetempile yiphose phandle, ungayilinganisi yona; ngokuba inikwe iintlanga; umzi ongcwele ziya kuwunyathelela phantsi iinyanga ezimashumi mane anambini.
11:3b.REV.011.003 Ndiya kuwanika amangqina am amabini, aprofete imihla eliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu, ethiwe wambu ngeengubo ezirhwexayo.
11:4b.REV.011.004 Lawo yile minquma mibini, nezi ziphatho zezibane zibini, zimiyo phambi koThixo womhlaba.
11:5b.REV.011.005 Ukuba kukho bani unga angawonakalisa, kophuma umlilo emlonyeni wawo, uzidle uzigqibe iintshaba zawo; nokuba kukho bani unga angawonakalisa, umelwe kukubulawa ngokunjalo.
11:6b.REV.011.006 Wona la anegunya lokulivala izulu, ukuze kungani mvula ngemihla yokuprofeta kwawo. Kananjalo anegunya phezu kwamanzi ukuwaguqula abe ligazi, nokuwubetha umhlaba ngezibetho zonke, ngamaxa onke asukuba ethanda ngawo.
11:7b.REV.011.007 Xa athe abufeza ubungqina bawo, irhamncwa elinyuka liphuma enzonzobileni liya kwenza imfazwe nawo, liweyise, liwabulale.
11:8b.REV.011.008 Izidumbu zawo ziya kuba sesitratweni somzi omkhulu, okuthiwa ngokomoya yiSodom neYiputa, apho kananjalo yabethelelwa khona emnqamlezweni iNkosi yawo.
11:9b.REV.011.009 Abakubo abantu, nezizwe, neelwimi, neentlanga, baya kuzibona izidumbu zawo imihla emithathu enesiqingatha somhla, bangavumi ukuba izidumbu zawo zibekwe emangcwabeni.
11:10b.REV.011.010 Abo bemiyo phezu komhlaba baya kuwavuyelela, babe nemihlali; bathumelane izipho; ngokuba abo baprofeti babini babathuthumbisa abo bemiyo phezu komhlaba.
11:11b.REV.011.011 Emva kwemihla leyo mithathu inesiqingatha somhla, umoya wobomi ophume kuThixo wangena kuwo, ema ngeenyawo zawo; baza bawelwa luloyiko olukhulu abo bawabonayo.
11:12b.REV.011.012 Eva izwi elikhulu liphuma ezulwini, lisithi kuwo, Nyukelani apha! Enyuka, aya ezulwini esefini; zawabona iintshaba zawo.
11:13b.REV.011.013 Ngelo lixa kwabakho unyikimo lomhlaba olukhulu, isahlulo seshumi somzi sawa, kwabulawa kolo lunyikimo abantu abangamawaka asixhenxe; abo baseleyo bangenelwa luloyiko, bamzukisa uThixo wezulu.
11:14b.REV.011.014 Uyeha wesibini udlule; yabona uyeha wesithathu uyeza kamsinya.
11:15b.REV.011.015 Sathi esesixhenxe isithunywa savuthela ixilongo; kwabakho amazwi amakhulu emazulwini, esithi: Izikumkani zehlabathi zithe zaba zezeNkosi yethu nezikaKristu wayo. Wayeya kuba nguKumkani kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
11:16b.REV.011.016 Aza amadoda amakhulu, angamashumi mabini anamane, ahleli phambi koThixo phezu kweetrone zawo, awa ngobuso bawo, aqubuda kuye uThixo,
11:17b.REV.011.017 esithi: Siyabulela kuwe, Nkosi, Thixo, Somandla, Wena ukhoyo, wawukho, uzayo, Kuba uwathabathile amandla akho amakhulu, waba nguKumkani.
11:18b.REV.011.018 Iintlanga zaqumba, Yeza ingqumbo yakho, Leza nexesha labo bafileyo ukuba bagwetywe, Nelokubanika umvuzo wabo abakhonzi bakho abaprofeti, nabo bangcwele, Nabo baloyikayo igama lakho, abancinane nabakhulu, Nelokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.
11:19b.REV.011.019 Yavulwa itempile kaThixo emazulwini, yabonakala ityeya yomnqophiso wakhe etempileni yakhe; kwabakho imibane, nezandi, neendudumo, nonyikimo lomhlaba, nesichotho esikhulu.
12
12:1b.REV.012.001 Kwabonakala umqondiso omkhulu emazulwini: umfazi ethiwe wambu ngelanga, inyanga ingaphantsi kweenyawo zakhe, entloko kuye isisithsaba seenkwenkwezi ezilishumi elinambini.
12:2b.REV.012.002 Uthi emithi akhale, enenimba, ethuthunjelwa ekuzaleni.
12:3b.REV.012.003 Kwabonakala omnye umqondiso emazulwini: nantso, inamba enkulu ebomvu, ineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, kwiintloko zayo izizithsaba ezisixhenxe.
12:4b.REV.012.004 Umsila wayo wawurhola isahlulo sesithathu seenkwenkwezi zezulu, waziphosa emhlabeni. Yathi inamba leyo yema phambi komfazi owayeza kuzala, ukuze, xa athe wazala, imdle imgqibe umntwana wakhe.
12:5b.REV.012.005 Wazala umntwana oyinkwenkwe, oza kuzalusa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi; umntwana wakhe lowo wathiwa xwi, wasiwa kuye uThixo, nakuyo itrone yakhe.
12:6b.REV.012.006 Wathi umfazi wasabela entlango, apho ikhona indawo ayilungiselwe nguThixo, ukuze bamnqake khona imihla eliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu.
12:7b.REV.012.007 Kwaza kwabakho imfazwe emazulwini, uMikayeli nezithunywa zakhe besilwa nenamba, inamba nezithunywa zayo zisilwa;
12:8b.REV.012.008 azaba nakweyisa, kanjalo ayaba safunyanwa indawo yazo emazulwini.
12:9b.REV.012.009 Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo.
12:10b.REV.012.010 Ndaza ndeva izwi elikhulu emazulwini lisithi, Ngoku luthe usindiso, namandla, nobukumkani, lwaba lolukaThixo wethu, negunya laba lelikaKristu wakhe; ngokuba ukhahlelwe phantsi ummangaleli wabazalwana bethu, lowo ubamangalelayo emehlweni kaThixo wethu imini nobusuku.
12:11b.REV.012.011 Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; abawuthandanga umphefumlo wabo, kwada kwasekufeni.
12:12b.REV.012.012 Ngenxa yoko yibani nemihlali, nina mazulu, nani ninomnquba kuwo. Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.
12:13b.REV.012.013 Yaza yathi inamba, yakubona ukuba iphoswe emhlabeni, yamtshutshisa umfazi ozele umntwana oyinkwenkwe.
12:14b.REV.012.014 Umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu, ukuze aphaphazele aye entlango, endaweni yakhe, apho anqakwa khona ixesha, namaxesha, nesiqingatha sexesha, kude nobuso benyoka.
12:15b.REV.012.015 Inyoka yakhupha emva komfazi ngomlomo wayo amanzi anjengomlambo, ukuze imkhukulise nomlambo.
12:16b.REV.012.016 Umhlaba wamsiza umfazi, wathi umhlaba wawuvula umlomo wawo, wawufinca umlambo eyawukhuphayo inamba ngomlomo wayo.
12:17b.REV.012.017 Yamqumbela umfazi inamba, yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, abo bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu Kristu.
13
13:1b.REV.013.001 Ndaza ndema phezu kwentlabathi yolwandle. Ndabona kunyuka, kuphuma elwandle, irhamncwa, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, ezimpondweni zalo izizithsaba ezilishumi, kwiintloko zalo iligama lonyeliso.
13:2b.REV.013.002 Laye irhamncwa elo ndalibonayo lifana nengwe, iinyawo zalo zinjengezebhere, umlomo walo unjengomlomo wengonyama. Inamba yalinika amandla ayo, netrone yayo, negunya elikhulu.
13:3b.REV.013.003 Ndabona enye yazo iintloko zalo, ingathi ixatyelwe yafa; inxeba lalo elibanga ukufa laphiliswa. Wamangaliswa umhlaba uphela, walilandela irhamncwa elo.
13:4b.REV.013.004 Bayinqula inamba eyalinika igunya irhamncwa, balinqula irhamncwa, besithi, Ngubani na ofana nerhamncwa elo? ngubani na onako ukulwa nalo?
13:5b.REV.013.005 Lanikwa umlomo othetha izinto ezinkulu, nezinyeliso; kanjalo lanikwa igunya lokulwa iinyanga ezimashumi mane anesibini.
13:6b.REV.013.006 Lawuvulela umlomo walo ekumnyeliseni uThixo, ukuba lilinyelise igama lakhe, nomnquba wakhe, nabo bahleli emazulwini.
13:7b.REV.013.007 Lanikwa igunya lokulwa nabangcwele, libeyise; lanikwa igunya kuzo zonke izizwe, neelwimi, neentlanga.
13:8b.REV.013.008 Baya kulinqula bonke abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angabhalwanga encwadini yobomi yayo iMvana, exheliweyo kususela ekusekweni kwehlabathi.
13:9b.REV.013.009 Ukuba ubani unendlebe, makeve.
13:10b.REV.013.010 Ukuba ubani uhlanganisela abanye ekuthinjweni, naye uya kusiwa ekuthinjweni; ukuba ubani ubulala ngekrele, umelwe kukubulawa naye ngekrele. Nalu unyamezelo nokholo lwabangcwele.
13:11b.REV.013.011 Ndabona elinye irhamncwa linyuka liphuma emhlabeni; laye lineempondo ezimbini zifana nezemvana, laye lithetha njengenamba.
13:12b.REV.013.012 Lenza lonke igunya lelokuqala irhamncwa, elalingaphambi kwalo; lenza umhlaba, nabo bawumiyo, ukuba balinqule irhamncwa lokuqala, elaphiliswayo inxeba lalo elibanga ukufa.
13:13b.REV.013.013 Lenza imiqondiso emikhulu, ukuze lihlise nomlilo ezulwini, uze emhlabeni phambi kwabantu,
13:14b.REV.013.014 libalahlekise abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze emehlweni erhamncwa elo; lisithi kwabo bemiyo phezu komhlaba, mabalenzele umfanekiselo irhamncwa, elibe linenxeba lalo ikrele, laphila.
13:15b.REV.013.015 Lanikwa igunya lokuwunika umfanekiselo werhamncwa umoya, ukuze umfanekiselo werhamncwa elo uthethe nokuthetha, wenze ukuba babulawe abasukuba bengaqubudi kuwo umfanekiselo werhamncwa.
13:16b.REV.013.016 Lenza bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe lilo esandleni sabo sokunene, nokuba kusemabunzini, abo.
13:17b.REV.013.017 nokuze kungabikho mntu unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, nokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo.
13:18b.REV.013.018 Nabu ubulumko. Lowo unengqiqo makalibale inani lerhamncwa; kuba linani lomntu; inani lalo ke lingamakhulu omathandathu anamanci mathandathu anesithandathu.
14
14:1b.REV.014.001 Ndabona, nantso iMvana imi phezu kwentaba yeZiyon, kumi nayo ikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, benalo igama loYise libhaliwe emabunzini abo.
14:2b.REV.014.002 Ndeva izwi liphuma ezulwini, lingathi sisandi samanzi amaninzi, lingathi sisandi sendudumo enkulu.
14:3b.REV.014.003 Ndeva nezwi lababethi beehadi, bebetha iihadi zabo; bevuma ingoma engathi intsha, phambi kwetrone, naphambi kwezinto eziphilileyo zone, namadoda amakhulu; kwaye kungekho namnye unako ukuyifunda ingoma leyo, lingelilo ikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, ababethengiwe emhlabeni.
14:4b.REV.014.004 Aba ngabo bangadyobhekanga ngabafazi, kuba benyulu. Aba ngabo bayilandelayo iMvana apho isukuba isiya khona. Aba bathengwa bephuma ebantwini, baziintlahlela kuye uThixo nakuyo iMvana.
14:5b.REV.014.005 Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala.
14:6b.REV.014.006 Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu;
14:7b.REV.014.007 sisithi ngezwi elikhulu, Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi.
14:8b.REV.014.008 Kwaza kwalandela esinye isithunywa sezulu, sisithi, Iwile, iwile iBhabheli, loo mzi mkhulu! ngokuba iseze zonke iintlanga ngewayini yomsindo wobuhenyu bayo.
14:9b.REV.014.009 Saza esesithathu isithunywa sezulu sazilandela zona, sisithi ngezwi elikhulu, Ukuba umntu uyalinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe:
14:10b.REV.014.010 yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe, athuthunjiswe ngomlilo nesulfure phambi kwezithunywa ezingcwele, naphambi kweMvana.
14:11b.REV.014.011 Umsi wokuthuthunjelwa kwabo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni; abanakuphumla imini nobusuku abo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, nomntu ukuba uthi alwamkele uphawu lwegama lalo.
14:12b.REV.014.012 Nalu unyamezelo lwabangcwele; naba abayigcinayo imithetho kaThixo nokukholwa kuYesu.
14:13b.REV.014.013 Ndeva izwi liphuma emazulwini, lisithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abafi, abo bafela eNkosini, kuthabathela apha; ewe, utsho uMoya, ukuba baphumle ekubulalekeni kwabo; imisebenzi yabo ke ilandelana nabo.
14:14b.REV.014.014 Ndabona, nalo ilifu elimhlophe; elifini apho kuhleli ofana noNyana woMntu, enesithsaba segolide entloko, esandleni sakhe enerhengqa elibukhali.
14:15b.REV.014.015 Kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni, sidanduluka ngezwi elikhulu kulo uhleli efini, sisithi, Lifake irhengqa lakho, uvune; ngokuba lifikile kuwe ilixa lokuvuna; ngokuba ukudla komhlaba kuvuthiwe.
14:16b.REV.014.016 Lowo uhleli efini waliphosa irhengqa lakhe emhlabeni; wavunwa ke umhlaba.
14:17b.REV.014.017 Kwaza kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni esemazulwini, naso sikwanerhengqa elibukhali.
14:18b.REV.014.018 Kwaphuma esinye isithunywa sezulu esibingelelweni, sinegunya kuwo umlilo; sabiza ngonkqangazo olukhulu kweso sinerhengqa elibukhali, sisithi, Lifake irhengqa lakho elibukhali, ubuthe izihloko zomdiliya womhlaba, ngokuba iidiliya zawo zigqibele ukuvuthwa.
14:19b.REV.014.019 Isithunywa saliphosa irhengqa laso emhlabeni, sawubutha umdiliya womhlaba, sawuphosa esixovulelweni esikhulu somsindo kaThixo.
14:20b.REV.014.020 Isixovulelo eso sanyathelwa ngaphandle komzi lowo; kwaphuma igazi esixovulelweni eso, lada lafika emikhaleni yamahashe, umgama wezitadiya eziliwaka elinamakhulu amathandathu.
15
15:1b.REV.015.001 Ndabona ezulwini omnye umqondiso omkhulu, ongummangaliso; izithunywa zezulu ezisixhenxe zinazo izibetho ezisixhenxe zokugqibela; ngokuba wazaliseka umsindo kaThixo ngazo.
15:2b.REV.015.002 Ndabona ngathi lulwandle lwegilasi, luphithikezene nomlilo; nabo bavela beloyisile irhamncwa, nomfanekiselo walo, nophawu lwalo, nenani legama lalo, bemi ngaselwandle lwegilasi, beneehadi zikaThixo.
15:3b.REV.015.003 Bayivuma ingoma kaMoses, umkhonzi kaThixo, nengoma yeMvana, besithi: Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho, Nkosi, Thixo Somandla; Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani weentlanga.
15:4b.REV.015.004 Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi, Angalizukisi igama lakho? Ngokuba inguwe wedwa ongcwele; Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.
15:5b.REV.015.005 Ndaza emva koko ndabona, nantso ivuliwe itempile yomnquba wobungqina emazulwini.
15:6b.REV.015.006 Zaphuma ke etempileni izithunywa zosixhenxe, zinezibetho ezisixhenxe, zambethe ilinen emhlophe eqaqambileyo, ziyibhinqele ezifubeni imibhinqo yegolide.
15:7b.REV.015.007 Yathi enye kuzo izinto eziphilileyo zone, yazinika izithunywa ezisixhenxe iingqayi zegolide ezisixhenxe, zizele ngumsindo kaThixo, odla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
15:8b.REV.015.008 Yazala itempile ngumsi ophuma ebuqaqawulini bukaThixo, nasemandleni akhe; kwaye kungekho namnye unako ukungena etempileni, zada zazaliseka izibetho zosixhenxe zezithunywa zosixhenxe.
16
16:1b.REV.016.001 Ndeva izwi elikhulu liphuma etempileni, lisithi kuzo izithunywa zezulu zosixhenxe, Hambani, niye kuziphalaza iingqayi zomsindo kaThixo emhlabeni.
16:2b.REV.016.002 Semka ke esokuqala, sayiphalaza ingqayi yaso emhlabeni; kwabakho isilonda esibi esinobuhlungu ebantwini, abo banophawu lwerhamncwa, abo baqubudayo kuwo umfanekiselo walo.
16:3b.REV.016.003 Saza esesibini isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elwandle; lwaba ligazi elinjengelofileyo, yaza yonke imiphefumlo edla ubomi yafa elwandle.
16:4b.REV.016.004 Saza esesithathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emilanjeni nasemithonjeni yamanzi; yaba ligazi.
16:5b.REV.016.005 Ndeva isithunywa samanzi, sisithi: Unobulungisa, Nkosi, wena ukhoyo, wawukho, uyingcwele, ngokuba ugwebile wenjenje;
16:6b.REV.016.006 Ngokuba baliphalazile igazi labangcwele nelabaprofeti; Wabanika igazi ukuba balisele, ngokuba belifanele.
16:7b.REV.016.007 Ndeva esinye siphuma esibingelelweni, sisithi: Ewe, Nkosi, Thixo Somandla, Iyinyaniso, inobulungisa imigwebo yakho.
16:8b.REV.016.008 Saza esesine isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elangeni; sanikwa igunya lokutshisa abantu ngomlilo.
16:9b.REV.016.009 Batsha abantu bubushushu obukhulu; balinyelisa igama likaThixo, onalo igunya kwezo zibetho; abaguquka bamzukise.
16:10b.REV.016.010 Saza esesihlanu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso etroneni yerhamncwa; baba mnyama ubukumkani balo; bamana beziluma iilwimi ngenxa yeentlungu;
16:11b.REV.016.011 bamnyelisa uThixo wamazulu ngenxa yeentlungu zabo, nangenxa yezilonda zabo: abaguquka emisebenzini yabo.
16:12b.REV.016.012 Saza esesithandathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emlanjeni omkhulu ongumEfrati; atsha amanzi awo, ukuze ilungiswe indlela yookumkani abo bavela empumalanga.
16:13b.REV.016.013 Ndabona kuphuma emlonyeni wenamba, nasemlonyeni werhamncwa, nasemlonyeni womprofeti wobuxoki, oomoya abathathu abangcolileyo, befana namasele.
16:14b.REV.016.014 Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.
16:15b.REV.016.015 Yabona, ndiza njengesela. Unoyolo lowo uphaphileyo, uzigcinayo iingubo zakhe, ukuze angahambi ze, balibone ihlazo lakhe.
16:16b.REV.016.016 Babahlanganisela endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon.
16:17b.REV.016.017 Saza esesixhenxe isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso esibhakabhakeni; kwaphuma izwi elikhulu, livela etempileni yamazulu, livela etroneni, lisithi, Kwenzekile.
16:18b.REV.016.018 Kwabakho imibane, nezandi, neendudumo; kwabakho nonyikimo lomhlaba olukhulu, ekungazanga kubekho lunjalo unyikimo ukuha lukhulu, kuseloko kwabakhoyo abantu emhlabeni.
16:19b.REV.016.019 Umzi omkhulu lowo waba zahlulo zithathu; yathi imizi yeentlanga yawa; iBhabheli enkulu yakhunjulwa emehlweni kaThixo, ukuba inikwe indebe yewayini yomsindo wengqumbo yakhe.
16:20b.REV.016.020 Into yonke eziziqithi yabaleka, neentaba zafunyanwa.
16:21b.REV.016.021 Kwesuka kwehla ezulwini phezu kwabantu isichotho esikhulu, esimatye ngathi ubunzima bawo yitalente ngalinye; baza abantu bamnyelisa uThixo ngenxa yesibetho sesichotho eso, ngokuba sisikhulu kakhulu isibetho saso.
17
17:1b.REV.017.001 Saza seza esinye sazo izithunywa zezulu zosixhenxe, ezineengqayi zosixhenxe, sathetha nam, sisithi kum, Yiza apha, ndikubonise ukugwetywa kwalo ihenyukazi elikhulu, elihleli phezu kwawo amanzi amaninzi;
17:2b.REV.017.002 abahenyuze nalo ookumkani bomhlaba, abo bawumiyo umhlaba, banxiliswa yiwayini yobuhenyu balo.
17:3b.REV.017.003 Sandisa entlango ndikuMoya; ndabona inkazana ihleli phezu kwerhamncwa elimfusa, lizele ngamagama onyeliso, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.
17:4b.REV.017.004 Yaye inkazana leyo ithiwe wambu ngengubo ebomvu nemfusa, ihonjiswe ngegolide, nelitye elinqabileyo, neeperile, inendebe yegolide esandleni sayo, izele ngamasikizi nezingcoliso zobuhenyu bayo.
17:5b.REV.017.005 Ebunzi kubhalwe igama elithi, imfihlelo, iBhabheli enkulu, unina wamahenyukazi nowamasikizi omhlaba.
17:6b.REV.017.006 Ndayibona inkazana leyo inxila ligazi labangcwele, naligazi lamangqina kaYesu. Ndamangaliswa ngokumangaliswa okukhulu ndakuyibona.
17:7b.REV.017.007 Sathi kum isithunywa sezulu, Umangaliswe yini na? Ndokuxelela mna imfihlelo yenkazana le, neyerhamncwa eli liyithweleyo, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.
17:8b.REV.017.008 Irhamncwa owalibonayo laye likho, alikho; liza kunyuka liphume enzonzobileni, limke liye entshabalalweni. Baya kumangaliswa abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angabhaliweyo encwadini yobomi kuseloko kwaba sekusekweni kwehlabathi, belibona nje irhamncwa elaye likho, elingekhoyo, likho noko.
17:9b.REV.017.009 Nantsi ingqiqo enobulumko. Iintloko ezisixhenxe ezi ziintaba ezisixhenxe, ehleli phezu kwazo inkazana leyo.
17:10b.REV.017.010 Kananjalo zona zingookumkani abasixhenxe. Abahlanu bawa, omnye ukho, omnye akakafiki; xa athe wafika, umelwe kukuhlala umzuzwana.
17:11b.REV.017.011 Irhamncwa elaye likho, elingekhoyo, lona lingowesibhozo okwangowabasixhenxe; umka aye entshabalalweni.
17:12b.REV.017.012 Iimpondo ezilishumi owazibonayo zingookumkani abalishumi, bona abo bangekamkeli bukumkani, basuka bamkele, njengookumkani, igunya lelixa elinye kunye nerhamncwa.
17:13b.REV.017.013 Aba banasicamango sinye, babeya kunikela amandla negunya labo kulo irhamncwa.
17:14b.REV.017.014 Aba baya kwenza imfazwe neMvana. IMvana iya kubeyisa, ngokuba inguNkosi kankosi, inguKumkani kakumkani; baya kweyisa nabo banayo, babiziweyo, banyuliweyo, bathembekileyo.
17:15b.REV.017.015 Sithi kum, Amanzi owawabonayo, apho lihleli khona ihenyukazi, ngabantu, nezihlwele, neentlanga, neelwimi;
17:16b.REV.017.016 iimpondo ezilishumi owazibonayo ziserhamncweni, ngabo baya kulithiya ihenyukazi, baliphanzise, balihlube, bayidle inyama yalo, balitshise ngomlilo.
17:17b.REV.017.017 Kuba uThixo ubeke ezintliziyweni zabo ukwenza ingcinga yakhe, benze ngcinga-nye, babunike irhamncwa ubukumkani babo, ade azaliseke amazwi kaThixo.
17:18b.REV.017.018 Inkazana owayibonayo nguloo mzi mkhulu, ulawula ookumkani bomhlaba.
18
18:1b.REV.018.001 Ndaza emva koko ndabona isithunywa sezulu sisihla, siphuma ezulwini, sinegunya elikhulu; umhlaba wakhanyiselwa bubuqaqawuli baso.
18:2b.REV.018.002 Sadanduluka ngamandla, ngezwi elikhulu, sisithi: Iwile, iwile iBhabheli enkulu, Yaba likhaya leedemon, nentolongo yoomoya bonke abangcolileyo, Nentolongo yeentaka zonke ezingcolileyo, ezithiyekileyo.
18:3b.REV.018.003 Ngokuba zonke iintlanga zisele kuyo iwayini yomsindo wobuhenyu bayo, Nookumkani bomhlaba bahenyuza nayo, Nabarhwebi bomhlaba baba zizityebi, ngamandla okuxhamla kwabo iziyolo zayo.
18:4b.REV.018.004 Ndeva elinye izwi liphuma emazulwini lisithi: Phumani kuyo, bantu bam, Ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, Nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.
18:5b.REV.018.005 Ngokuba izono zayo ziye zafikelela emazulwini, Nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo.
18:6b.REV.018.006 Yibuyekezeni, njengoko nayo yanibuyekezayo, Niyiphinde impinda ngokwemisebenzi yayo; Indebe eyaniphithikezela yona, yiphithikezeleni impinda nani.
18:7b.REV.018.007 Yinikeni intuthumbo nesijwili, ngangoko yazizukisayo, yaxhamla iziyolo. Ngokuba ithi entliziyweni yayo, Ndihleli ndingukumkanikazi, Andimhlolokazi, andisayi kubona sijwili.
18:8b.REV.018.008 Ngenxa yoko ziya kufika ngamini-nye izibetho zayo, Ukufa, nesijwili, nendlala. Iya kutsha ngumlilo, Ngokuba ligorha iNkosi uThixo, lowo uyigwebayo.
18:9b.REV.018.009 Ookumkani bomhlaba, abo bahenyuza nayo, baxhamla iziyolo nayo, baya kuyililela, Bayimbambazelele, bakuwubona umsi wokutsha kwayo;
18:10b.REV.018.010 Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Bhabheli, mzi unamandla! Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho.
18:11b.REV.018.011 Nabarhwebi bomhlaba baya kulila, benze isijwili ngenxa yayo, Ngokuba ingasathengwa bani impahla yabo yomkhombe:
18:12b.REV.018.012 Impahla yegolide, neyesilivere, neyelitye elinqabileyo, neyeeperile, Neyelinen ecikizekileyo, neyeengubo ezibomvu, neyesilika, neyeengubo ezimfusa, Nomthi wonke ongumsedare, Nezitya zonke zeempondo zeendlovu, Nezitya zonke zomthi onqabileyo kakhulu, Nezobhedu, nezentsimbi, nezemarmore,
18:13b.REV.018.013 Nesinamon, neziqhumiso, namafutha aqholiweyo, nentlaka emhlophe, Newayini, neoli, nomgubo ocoliweyo, nengqolowa, Namaqegu, nezimvu, namahashe, neenqwelo, Nemizimba nemiphefumlo yabantu.
18:14b.REV.018.014 Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe, Nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe; Akusayi kuba sazifumana zona.
18:15b.REV.018.015 Abarhwebi bezo zinto, abo batyeba ngayo, Baya kuma kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo,
18:16b.REV.018.016 Belila, besenza isijwili, besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Owawuthiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, nengubo ebomvu, nengubo emfusa, Uhonjiswe ngegolide, namatye anqabileyo, neeperile! Ngokuba buphanziswe ngalixa linye ubutyebi obungaka.
18:17b.REV.018.017 Bonke abaqhubi-mikhombe, nayo yonke indibandiba esezinqanaweni, Noomateloshe, nabo bonke abasebenza elwandle,
18:18b.REV.018.018 Bema kude, bamana bedanduluka, bakuwubona umsi wokutsha kwayo, Besithi, Nguwuphi na ofana nalo mzi mkhulu?
18:19b.REV.018.019 Bagalela uthuli entloko, Bamana bedanduluka, belila, besenza isijwili, Besithi, Yeha, yeha, mzimkhulu, Apho baba nobutyebi khona bonke aba baneenqanawa elwandle, ngeento ezinqabileyo zawo! Ngokuba ngalixa linye uphanzisiwe.
18:20b.REV.018.020 Wenzele imihlali, nina mazulu, Nani bapostile bangcwele, nani baprofeti; Ngokuba uThixo eniphindezelele kuwo.
18:21b.REV.018.021 Saza isithunywa esithile esinamandla safunqula ilitye, langa lilitye lokusila, ukuba likhulu kwalo; saliphosa elwandle, sisithi: Iya kwenjiwa nje ke ukugadlelwa kwayo iBhabheli, umzi omkhulu, ingabi saba safunyanwa.
18:22b.REV.018.022 Isandi sababethi beehadi, neseemvumi, nesabagwali, nesabavutheli-maxilongo, asisayi kuba saviwa kuwe; Neengcibi zonke zobungcibi bonke azisayi kuba safunyanwa kuwe; Nesandi selitye lokusila asisayi kuba saviwa kuwe;
18:23b.REV.018.023 Nokukhanya kwesibane akusayi kuba sakhanya kuwe; Nezwi lomyeni nelomtshakazi alisayi kuba saviwa kuwe; Ngokuba abarhwebi bakho bebengamanene omhlaba; Ngokuba zonke iintlanga zalahlekiswa kukukhafula kwakho.
18:24b.REV.018.024 Kuwo kwafunyanwa igazi labaprofeti, nelabangcwele, Nelabo bonke abasikiweyo emhlabeni.
19
19:1b.REV.019.001 Ndaza emva koko ndeva sanga sisandi esikhulu sesihlwele esikhulu emazulwini, sisithi: Haleluya! Usindiso, nozuko, nembeko, namandla NgaweNkosi uThixo wethu!
19:2b.REV.019.002 Ngokuba iyinyaniso, inobulungisa, imigwebo yayo;
19:3b.REV.019.003 Ngokuba ihenyukazi elikhulu, elo laliwonakalisa umhlaba ngobuhenyu balo, iligwebile, Igazi labakhonzi bayo yaliphindezelela esandleni salo. Bathi okwesibini: Haleluya! Umsi walo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni.
19:4b.REV.019.004 Awa amadoda amakhulu, angamashumi amabini anamane, nezinto eziphilileyo zone, zaqubuda kuye uThixo ohleli phezu kwetrone, zisithi: Amen!
19:5b.REV.019.005 Haleluya! Kwaphuma izwi etroneni, lisithi: Mdumiseni uThixo wethu, nonke nina bakhonzi bakhe, Nani bamoyikayo, abancinane kwanabakhulu.
19:6b.REV.019.006 Ndeva sanga sisandi sesihlwele esikhulu, sanga sisandi samanzi amaninzi, sanga sisandi seendudumo ezinkulu, sisithi: Haleluya! Ngokuba iNkosi uThixo uSomandla inguKumkani.
19:7b.REV.019.007 Masivuye sigcobe, siyizukise; Ngokuba ufikile umsitho weMvana, Umfazi wayo uzilungisile.
19:8b.REV.019.008 Wanikwa ukuba athiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, emhlophe, eqaqambileyo; kuba ilinen ecikizekileyo yimisebenzi yobulungisa yabangcwele.
19:9b.REV.019.009 Sithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abo bamenyelwe esidlweni somsitho weMvana. Sithi kum, Lawo ngamazwi ayinyaniso kaThixo.
19:10b.REV.019.010 Ndawa ezinyaweni zaso, ukuba ndiqubude kuso. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abanobungqina bukaYesu; qubuda kuThixo; kuba ubungqina bukaYesu bungumoya wesiprofeto.
19:11b.REV.019.011 Ndalibona izulu livulekile, nalo ihashe elimhlophe; lowo uhleli phezu kwalo kusithiwa, nguThembekile, nguNyaniso; ugweba, enze imfazwe, ngobulungisa.
19:12b.REV.019.012 Amehlo akhe ke aye enjengelangatye lomlilo, entloko izizithsaba ezininzi; enegama libhaliwe, elingaziwa namnye ungenguye.
19:13b.REV.019.013 Yena wayethiwe wambu ngengubo ethiwe nkxu egazini; igama lakhe kuthiwa nguLizwi likaThixo.
19:14b.REV.019.014 Yaye imikhosi esemazulwini imlandela, ikumahashe amhlophe, bambethe ilinen ecikizekileyo, eqaqambileyo, emhlophe.
19:15b.REV.019.015 Emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, ukuze azithi qwaka ngalo iintlanga. Yena uya kuzalusa ngentonga yentsimbi; yena unyathela isixovulelo sewayini yomsindo neyengqumbo kaThixo uSomandla.
19:16b.REV.019.016 Engutyeni yakhe nasethangeni lakhe wayenegama libhaliwe kwathiwa, uKumkani kaKumkani, uNkosi kaNkosi.
19:17b.REV.019.017 Ndabona sithunywa sithile sasezulwini, simi elangeni; sadanduluka ngezwi elikhulu, sisithi kuzo zonke iintaka eziphaphazelayo esazulwini sezulu, Yizani nizihlanganisele esidlweni sikaThixo omkhulu;
19:18b.REV.019.018 ukuze nidle inyama yookumkani, nenyama yabathetheli-waka, nenyama yamagorha, nenyama yamahashe, neyabakhweli bawo, nenyama yabo bonke abakhululekileyo nabangamakhoboka, neyabancinane neyabakhulu.
19:19b.REV.019.019 Ndalibona irhamncwa, nookumkani bomhlaba, nemikhosi yabo, ihlanganisene ukwenza imfazwe nalowo uhleli ehasheni, nomkhosi wakhe.
19:20b.REV.019.020 Labanjwa ke irhamncwa; kunye nalo kwabanjwa umprofeti obuxoki, lowo wayenzayo imiqondiso emehlweni alo, wabalahlekisa ngayo abo balwamkelayo uphawu lwerhamncwa, nabo baqubuda kuwo umfanekiselo walo; baphoswa behleli abo bobabini edikeni lomlilo elivutha isulfure.
19:21b.REV.019.021 Abaseleyo babulawa ngekrele lalowo uhleli ehasheni, ikrele elo luphumayo emlonyeni wakhe; zathi zonke iintaka zahlutha yinyama yabo.
20
20:1b.REV.020.001 Ndabona isithunywa sezulu, sisihla siphuma emazulwini, sinesitshixo senzonzobila, nomxokelelwane omkhulu esandleni saso.
20:2b.REV.020.002 Sayibamba inamba, loo nyoka yakudala enguMtyholi, uSathana ke, sayikhonkxa iminyaka eliwaka.
20:3b.REV.020.003 Sayiphosa enzonzobileni, sayivalela, satywina ngaphezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka; emva koko imelwe kukukhululwa ixeshana elincinane.
20:4b.REV.020.004 Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo. Ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngezembe, ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, abasukuba bengalinqulanga irhamncwa nomfanekiselo walo, abangalwamkelanga uphawu lwalo ebunzini nasesandleni sabo; badla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka.
20:5b.REV.020.005 Ke abafileyo abaseleyo ababuyanga badle bomi, yada yazaliseka iminyaka eliwaka. Olo luvuko lokuqala.
20:6b.REV.020.006 Unoyolo, ungcwele, lowo unesabelo eluvukweni lokuqala; ukufa kwesibini akunagunya kubo abanjalo; baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.
20:7b.REV.020.007 Xa ithe yazaliseka iminyaka eliwaka, uSathana wokhululwa entolongweni yakhe;
20:8b.REV.020.008 aphume, aye kuzilahlekisa iintlanga ezisezimbombeni ezine zehlabathi, uGogi noMagogi, ukubahlanganisela emfazweni, abanani labo lingangentlabathi yaselwandle.
20:9b.REV.020.009 Banyuka, baya kububanzi behlabathi, bayirhawula inqaba yomkhosi wabangcwele, nomzi othandiweyo; kwehla umlilo uvela kuThixo, uphuma ezulwini, wabadla wabagqiba.
20:10b.REV.020.010 UMtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti obuxoki; baya kuthuthunjelwa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
20:11b.REV.020.011 Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto.
20:12b.REV.020.012 Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.
20:13b.REV.020.013 Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe.
20:14b.REV.020.014 Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo. Oko kukufa kwesibini.
20:15b.REV.020.015 Wathi ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi, waphoswa edikeni lomlilo.
21
21:1b.REV.021.001 Ndabona izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule, nolwandle alusekho.
21:2b.REV.021.002 Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uvela kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe.
21:3b.REV.021.003 Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi: Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; Uya kuhlala nabo emnqubeni, Bona babe ngabantu bakhe, Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo;
21:4b.REV.021.004 Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, Kungabi sabakho kufa, Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; Ngokuba izinto zokuqala zigqithile.
21:5b.REV.021.005 Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo.
21:6b.REV.021.006 Wathi kum, Kwenzekile; mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa.
21:7b.REV.021.007 Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.
21:8b.REV.021.008 Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.
21:9b.REV.021.009 Kwaza kweza kum esinye sezithunywa zezulu ezisixhenxe, ezineengqayi ezisixhenxe, ezizele zizibetho zosixhenxe zokugqibela, sathetha nam sisithi, Yiza apha, ndikubonise umtshakazi, umfazi wayo iMvana.
21:10b.REV.021.010 Sandisa ndikuMoya entabeni enkulu, ephakamileyo, sandibonisa umzi omkhulu, iYerusalem engcwele, usihla uphuma emazulwini, uvela kuThixo,
21:11b.REV.021.011 unobuqaqawuli bukaThixo; isikhanyiso sawo sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, langa lilitye leyaspisi ebengezela njengekristale.
21:12b.REV.021.012 Kananjalo unodonga olukhulu oluphakamileyo. Unamasango alishumi elinamabini, phezu kwamasango unezithunywa zezulu ezilishumi elinazibini; kubhalwe kuwo amagama angawezizwe ezilishumi elinazibini zoonyana bakaSirayeli;
21:13b.REV.021.013 ngasempumalanga ingamasango mathathu, ngasentla ingamasango mathathu, ngasezantsi ingamasango mathathu, ngasentshonalanga ingamasango mathathu.
21:14b.REV.021.014 Udonga lomzi lunamatye eziseko alishumi elinamabini, kuwo ingamagama abapostile abalishumi elinababini bayo iMvana.
21:15b.REV.021.015 Lowo ubethetha nam wayenengcongolo yegolide, ukuba awulinganise umzi lowo, namasango awo, nodonga lwawo.
21:16b.REV.021.016 Umzi lowo umbombo-ne ukuma kwawo; ubude bawo bungangobubanzi bawo. Wawulinganisa umzi lowo ngengcongolo, wazitadiya ezilishumi linazibini lamawaka; ubude nobubanzi nokuphakama kwawo kuyalingana.
21:17b.REV.021.017 Walulinganisa nodonga lwawo, ikhulu elinamanci mane anesine leekubhite, ngokomlinganiso womntu, oko kukuthi, wesithunywa sezulu.
21:18b.REV.021.018 Isakhiwo sodonga lwawo yiyaspisi; Umzi yigolide engcwengekileyo, efana negilasi ebonakalelayo,
21:19b.REV.021.019 Namatye eziseko zodonga lomzi ayevathiswe ngamatye onke anqabileyo. Elokuqala ilitye lesiseko yiyaspisi, elesibini yisafire, elesithathu yikalikedo, elesine yismarado,
21:20b.REV.021.020 elesihlanu yisardonisi, elesithandathu yisardiyo, elesixhenxe yikrizolite, elesibhozo yibherilo, elesithoba yitopazi, eleshumi yikrizoprazi, eleshumi elinalinye yihakinto, eleshumi elinambini yiametiste.
21:21b.REV.021.021 Namasango lawo alishumi elinamabini aziiperile ezilishumi elinambini, lalelo isango ngalinye lenziwe ngaperile-nye; nesitrato somzi yigolide engcwengekileyo, njengegilasi ebonakalelayo.
21:22b.REV.021.022 Andibonanga tempile kuwo, kuba iNkosi uThixo uSomandla nayo iMvana yitempile yawo.
21:23b.REV.021.023 Umzi lowo awufuni langa, kwanayo inyanga, kuba ubuqaqawuli bukaThixo buwukhanyisela, nayo iMvana isisibane sawo.
21:24b.REV.021.024 Iintlanga zabo basindiswayo ziya kuhamba ekukhanyeni kwawo; ookumkani bomhlaba bazise kuwo uzuko nembeko yabo.
21:25b.REV.021.025 Amasango awo akasayi kuvalwa mini (kuba ubusuku abuyi kubakho khona).
21:26b.REV.021.026 Baya kuzisa uzuko nembeko yeentlanga ezo kuwo.
21:27b.REV.021.027 Akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; abaya kungena ngabo bodwa babhalwe encwadini yobomi yeMvana.
22
22:1b.REV.022.001 Saza sandibonisa umlambo wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce, uphuma etroneni kaThixo neyeMvana.
22:2b.REV.022.002 Phakathi kwesitrato sawo, ngapha nangapha komlambo, ngumthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; aye amagqabi omthi lowo engawokuphilisa iintlanga.
22:3b.REV.022.003 Akusayi kuba sabakho nasinye isiqalekiso; yaye itrone kaThixo neyeMvana iya kubakho kuwo; abakhonzi bakhe bamkhonze,
22:4b.REV.022.004 babubone ubuso bakhe, negama lakhe libe semabunzini abo.
22:5b.REV.022.005 Akuyi kubakho busuku khona; abafuni sibane, nakukhanya kwelanga, ngokuba iNkosi uThixo ibakhanyisela; baya kuba ngookumkani, kuse emaphakadeni asema phakadeni.
22:6b.REV.022.006 Saza sathi kum, La mazwi athembekile, ayinyaniso; iNkosi, uThixo wabaprofeti abangcwele, yathuma isithunywa sayo sasemazulwini ukubabonisa abakhonzi bayo izinto ezimele ukubakho kamsinya.
22:7b.REV.022.007 Yabona, ndiyeza kamsinya; unoyolo lowo uwagcinayo amazwi esiprofeto sayo le ncwadi.
22:8b.REV.022.008 Mna, Yohane, ndingulowo ubezibona ezi zinto, eziva; ndathi ndakuva, ndakubona, ndawa ndaqubuda phambi kweenyawo zesithunywa sezulu esandibonisa ezi zinto.
22:9b.REV.022.009 Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; kuba ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abaprofeti, nabo bawagcinayo amazwi ale ncwadi; qubuda kuThixo.
22:10b.REV.022.010 Sithi kum, Musa ukuwatywina amazwi esiprofeto sale ncwadi; ngokuba ixesha likufuphi.
22:11b.REV.022.011 Lowo ungalungisiyo, makaselehlala engalungisi; lowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku; nolilungisa makaselehlala elungisa; nongcwele makaselehlala ezingcwalisile.
22:12b.REV.022.012 Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, ukuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo.
22:13b.REV.022.013 Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, owokuqala nowokugqibela.
22:14b.REV.022.014 Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi.
22:15b.REV.022.015 Ngaphandle ke zizinja, nabakhafuli, nabenzi bombulo, nababulali, nabakhonzi bezithixo, nabo bonke ababuthandayo, ababenzayo ubuxoki.
22:16b.REV.022.016 Mna, Yesu, ndasithuma isithunywa sam sasemazulwini, ukuba ndizingqine kuni ezi zinto ngawo amabandla. Mna ndiyingcambu nenzala kaDavide, ikhwezi eliqaqambileyo lokusa.
22:17b.REV.022.017 UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo, makawathabathe amanzi obomi ngesisa.
22:18b.REV.022.018 Kuba ndiyangqina kubantu bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, ukuba, Xa athe umntu wongeza kwezo zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi;
22:19b.REV.022.019 ukuba ke uthe umntu wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi.
22:20b.REV.022.020 Uthi lowo uzingqinayo ezi zinto, Ewe, ndiyeza kamsinya. Amen. Ewe, yiza, Nkosi Yesu.
22:21b.REV.022.021 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Revelation (Xhosa). Revelation (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C439-B