2 Timothy (Xhosa)
1
1:1b.2TI.001.001 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ngokwedinga lobomi obukuKristu Yesu,
1:2b.2TI.001.002 ubhalela uTimoti, umntwana wakhe oyintanda; uthi, Makube lubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, noKristu Yesu iNkosi yethu.
1:3b.2TI.001.003 Ndinokubulela kuye uThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, ndikukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam ubusuku nemini;
1:4b.2TI.001.004 ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndizikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo;
1:5b.2TI.001.005 ndikhunjuzwa nje ukholo olukuwe olungenakuhanahanisa, lona lwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike, endinyanisileyo ke ukuthi luhleli nakuwe.
1:6b.2TI.001.006 Endithi ngenxa yelo thuba ndikukhumbuze, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo, esikhoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam phezu kwakho.
1:7b.2TI.001.007 Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima.
1:8b.2TI.001.008 Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo;
1:9b.2TI.001.009 owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade;
1:10b.2TI.001.010 lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi;
1:11b.2TI.001.011 endamiselwa zona mna, ndaba ngumvakalisi nompostile nomfundisi weentlanga;
1:12b.2TI.001.012 endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini.
1:13b.2TI.001.013 Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni naseluthandweni olukuKristu Yesu.
1:14b.2TI.001.014 Loo nto intle uyiphathisiweyo, yigcine ngoMoya oyiNgcwele ohleliyo ngaphakathi kwethu.
1:15b.2TI.001.015 Oku uyakwazi, ukuba bandinikele umva bonke abaseAsiya; abanoFigelo noHermogene.
1:16b.2TI.001.016 Yanga iNkosi ingayenzela inceba indlu kaOnesiforo; ngokuba kwaba futhi endiphumza, akaba nazintloni nguwo umxokelelwane wam.
1:17b.2TI.001.017 Wathi akuba eseRoma, wandifuna ngokukhuthala okukhulu, wandifumana.
1:18b.2TI.001.018 Yanga iNkosi ingamfumanisa inceba eNkosini ngaloo mini. Nguwena waziyo kakuhle oko zingako izinto awalungiselela ngazo e-Efese.
2
2:1b.2TI.002.001 Wena ngoko, mntwana wam, yomelela elubabalweni olukuKristu Yesu;
2:2b.2TI.002.002 uthi nezinto owazivayo kum ngamangqina amaninzi, ezo uzibeke phambi kwabantu abathembekileyo, bona baya kukulingana ukufundisa nabanye.
2:3b.2TI.002.003 Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu.
2:4b.2TI.002.004 Akukho namnye uthi, ephuma umkhosi, azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukuphuma umkhosi.
2:5b.2TI.002.005 Nakuba ke ubani esithi azame emdlalweni, akathweswa sithsaba, ukuba akathanga azame ngokomthetho.
2:6b.2TI.002.006 Umlimi lowo ubulalekayo, umelwe kukwamkela kuqala kwiziqhamo.
2:7b.2TI.002.007 Ziqiqe izinto endizithethayo; iNkosi yokupha ke ingqondo ezintweni zonke.
2:8b.2TI.002.008 Mkhumbule uYesu Kristu, engovukileyo kwabafileyo, engowembewu kaDavide, ngokweendaba zam ezilungileyo;
2:9b.2TI.002.009 endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni, njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe.
2:10b.2TI.002.010 Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabo abanyulwa, ukuze nabo bamkele usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade.
2:11b.2TI.002.011 Lithembekile ilizwi eli: Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye;
2:12b.2TI.002.012 ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela;
2:13b.2TI.002.013 ukuba asithembekile, yena uhlala ethembekile; akanako ukuzikhanyeza.
2:14b.2TI.002.014 Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungenziwa mfazwe yamazwi angancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli.
2:15b.2TI.002.015 Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso.
2:16b.2TI.002.016 Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo.
2:17b.2TI.002.017 Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto,
2:18b.2TI.002.018 abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye.
2:19b.2TI.002.019 Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nothi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu.
2:20b.2TI.002.020 Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko.
2:21b.2TI.002.021 Ukuba ngoko umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo.
2:22b.2TI.002.022 Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo.
2:23b.2TI.002.023 Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe.
2:24b.2TI.002.024 Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa, enyamezela ububi,
2:25b.2TI.002.025 ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso,
2:26b.2TI.002.026 babuye baqabuke, baphume esibatheni sakhe uMtyholi, ababanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye.
3
3:1b.2TI.003.001 Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko.
3:2b.2TI.003.002 Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali,
3:3b.2TI.003.003 abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga,
3:4b.2TI.003.004 abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo;
3:5b.2TI.003.005 benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka.
3:6b.2TI.003.006 Kuba baphuma kwaba, abo banyebelezela ezindlwini, bathimbe abafazazana abazono ziziimfumba, bephethwe ziinkanuko ngeenkanuko,
3:7b.2TI.003.007 behlala befunda, bangaze phofu babe nako ukufika ekuyazini inyaniso.
3:8b.2TI.003.008 Kwangolo hlobo ke, bathi ooYanes noYambres bamchasa uMoses, ngokunjalo nabo aba bayayichasa inyaniso. Bangabantu abonakele iingqiqo, abangenakucikideka ngakulo ukholo.
3:9b.2TI.003.009 Abayi kuhambela phambili ngakumbi; kuba ukungabi nangqiqo kwabo kuya kubonakala kubantu bonke, njengokuba kwaba njalo okwabaya.
3:10b.2TI.003.010 Ke wena uyilandile eyam imfundiso, ihambo, ingqibo, ukholo, ukuzeka kade umsindo, uthando, unyamezelo,
3:11b.2TI.003.011 iintshutshiso, iintlungu ezinjengezo zandihlelayo kwa-Antiyokwe, eIkoniyo, eListra; ukutshutshiswa okunjengoko ndakuthwalayo, yaza iNkosi yandihlangula kuko konke.
3:12b.2TI.003.012 Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.
3:13b.2TI.003.013 Ke bona abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa.
3:14b.2TI.003.014 Ke wena yima ezintweni owazifundayo, waqiniselwa kuzo, umazi owazifunda kuye;
3:15b.2TI.003.015 nokuba uzaze kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu.
3:16b.2TI.003.016 Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni,
3:17b.2TI.003.017 ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.
4
4:1b.2TI.004.001 Ndiyaqononondisa mna ngoko emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, oza kugweba abaphilileyo nabafileyo, kwanangokubonakala kwakhe nobukumkani bakhe:
4:2b.2TI.004.002 livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, unako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa.
4:3b.2TI.004.003 Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe;
4:4b.2TI.004.004 babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi.
4:5b.2TI.004.005 Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho.
4:6b.2TI.004.006 Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi.
4:7b.2TI.004.007 Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile.
4:8b.2TI.004.008 Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.
4:9b.2TI.004.009 Khawuleza uze kum kamsinya;
4:10b.2TI.004.010 kuba uDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku, waya eTesalonika; uKreske uye kwelaseGalati; uTito uye kwelaseDalmati.
4:11b.2TI.004.011 NguLuka yedwa onam. Thabatha uMarko uze naye; kuba unokundinceda kakuhle kumsebenzi wokulungiselela.
4:12b.2TI.004.012 Ke uTikiko ndamthumela e-Efese.
4:13b.2TI.004.013 Ingubo endayishiya eTrowa kuKarpo, uze uyiphathe ekuzeni kwakho, neencwadi ezo, ngokukodwa ezezintsu.
4:14b.2TI.004.014 UAlesandire, umkhandi wobhedu, wandenza izinto ezininzi ezimbi; iNkosi iya kumbuyekeza ngokwemisebenzi yakhe.
4:15b.2TI.004.015 Mlumkele nawe; kuba wawachasa kunene amazwi ethu.
4:16b.2TI.004.016 Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya; kwanga akungebalelwe kubo oko.
4:17b.2TI.004.017 Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza; ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama.
4:18b.2TI.004.018 Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
4:19b.2TI.004.019 Bulisa kuPriska noAkwila, nakwindlu kaOnesiforo.
4:20b.2TI.004.020 UErasto wasala eKorinte. Ke uTrofimo ndamshiya eMileto esifa.
4:21b.2TI.004.021 Khawuleza uze, kungekabi sebusika. Uya kubulisa uYubhulo, noPudens, noLino, noKlawudiya, nabo abazalwana bonke.
4:22b.2TI.004.022 INkosi uYesu Kristu mayibe nomoya wakho. Ubabalo malube nani. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. 2 Timothy (Xhosa). 2 Timothy (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C418-0