1 Timothy (Xhosa)
1
1:1b.1TI.001.001 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu, ngokommiselo kaThixo uMsindisi wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu, iThemba lethu,
1:2b.1TI.001.002 ubhalela uTimoti, umntwana wakhe kanye ngokwaselukholweni; uthi, Makube lubabalo, inceba, uxolo, oluvela kuThixo uBawo, noKristu Yesu iNkosi yethu.
1:3b.1TI.001.003 Njengoko ndakuyalayo ukuba uhlale e-Efese, ndakuba mna ndisiya kwelaseMakedoni, ndenjenjalo ukukuyala nangoku, ukuze ubathethele abanye, bangafundisi mfundiso yimbi;
1:4b.1TI.001.004 kananjalo banganyamekeli zintsomi namilibo yakuzalwa engaphele ndawo, izinto ezo ezibanga iimbuzwano, zingahambisi lona ulwakho lukaThixo olungokholo.
1:5b.1TI.001.005 Ke intsingiselo yoyalo iluthando oluphuma entliziyweni ehlambulukileyo, nasesazeleni esilungileyo, naselukholweni olungahanahanisiyo;
1:6b.1TI.001.006 abathe abathile, beziphosile ezo nto, baphambukela ekuthetheni okungento yanto;
1:7b.1TI.001.007 bethanda ukuba ngabafundisi bomthetho, phofu bengaziqiqi izinto abazithethayo, kwanezo bazingqinayo.
1:8b.1TI.001.008 Siyazi ke ukuba umthetho mhle, ukuba umntu uthi awuphathe ngokomthetho;
1:9b.1TI.001.009 ngokwazi oku, ukuba umthetho lo awuwiselwe lungisa, uwiselwe ke abachasene nomthetho, nabangenakululama, abangahloneli Thixo, nabangaboni, abangengcwele, nabahlambeli, ababethiyise nababethi-nina, izigwinta,
1:10b.1TI.001.010 abenzi bombulo, amadoda alalanayo, amasela abantu, amaxoki, amafunga-buxoki, nokuba kukho nto yimbi ichasene nemfundiso ephilileyo;
1:11b.1TI.001.011 ngokweendaba ezilungileyo zozuko lukaThixo osikelelekileyo, endaphathiswa zona mna.
1:12b.1TI.001.012 Kananjalo ndinombulelo kowandomelezayo, uKristu Yesu iNkosi yethu, kuba wandibalela ekuthini ndithembekile, endimisela ebulungiselelini;
1:13b.1TI.001.013 nakuba ngaphambili ndandingumnyelisi, nomtshutshisi, nomphathi kakubi; ndesuka ndenzelwa inceba, ngokuba ndakwenza oko ndingazi, ndisekungakholweni;
1:14b.1TI.001.014 ke lwanda ngokuncamisileyo ubabalo lweNkosi yethu, lunokholo nothando olukuKristu Yesu.
1:15b.1TI.001.015 Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba uKristu Yesu weza ehlabathini ukuba asindise aboni; endingomkhulu kubo mna;
1:16b.1TI.001.016 noko ke ndesuka ndenzelwa inceba ngenxa yoku, ukuze uYesu Kristu akubonakalalisele kum, mna ungomkhulu, konke ukuzeka kade umsindo, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye, base ebomini obungunaphakade.
1:17b.1TI.001.017 Ke kaloku, kuye uKumkani wawo amaphakade, ongenakonakala, ongenakubonakala, kuThixo olumkileyo yedwa, makubekho imbeko nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
1:18b.1TI.001.018 Olu yalo ndilubeka phambi kwakho, mntwana wam Timoti, ngokweziprofeto ezandulelayo ngawe, ukuze ulwe ngazo ukulwa okuhle,
1:19b.1TI.001.019 unokholo nesazela esilungileyo, ethe inxenye, isigibile, yaphukelwa ngumkhombe mayelana nokholo;
1:20b.1TI.001.020 inoHimenayo noAlesandire, endabanikelayo kuSathana, ukuze baqeqeshwe ukuba banganyelisi.
2
2:1b.1TI.002.001 Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke;
2:2b.1TI.002.002 ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke.
2:3b.1TI.002.003 Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo;
2:4b.1TI.002.004 onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.
2:5b.1TI.002.005 Kuba mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu,
2:6b.1TI.002.006 lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo;
2:7b.1TI.002.007 endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni.
2:8b.1TI.002.008 Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo.
2:9b.1TI.002.009 Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima, ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu;
2:10b.1TI.002.010 mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo.
2:11b.1TI.002.011 Umfazi, ezolile, makafunde ethobele konke.
2:12b.1TI.002.012 Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; makazole.
2:13b.1TI.002.013 Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva.
2:14b.1TI.002.014 Kanjalo akulukuhlwanga Adam; kulukuhlwe umfazi, waba sekugqitheni.
2:15b.1TI.002.015 Noko ke wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima.
3
3:1b.1TI.003.001 Lithembekile ilizwi eli lithi, Ukuba ubani ungxamele ubuveleli, unqwenela umsebenzi omhle.
3:2b.1TI.003.002 Umveleli ngoko umelwe kukuthi abe ngongenakukhalazelwa, eyindoda yamfazi mnye, eyingcathu, enesidima, ezibekile, ebuka iindwendwe, enokufundisa;
3:3b.1TI.003.003 engageziswa yiwayini, engembethi, engemngxameli wanzuzo imbi. Makabe ngothantamisayo, engalwi, engemthandi wamali;
3:4b.1TI.003.004 eyongamele kakuhle eyakhe indlu, abantwana bakhe bemthobele, benokundileka konke
3:5b.1TI.003.005 (kuba ukuba umntu akakwazi ukuyongamela eyakhe indlu, angathini na ukuphatha ibandla likaThixo?);
3:6b.1TI.003.006 angabi ngosandula ukungeniswa, ukuze angathiwa lwale likratshi, eyele ekugwetyweni koMtyholi.
3:7b.1TI.003.007 Kanjalo ke umelwe kukuthi abe nobungqina obuhle obuvela kwabangaphandle, ukuze angeyeli engcikivweni nasesibatheni soMtyholi.
3:8b.1TI.003.008 Kwangokunjalo abalungiseleli bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ntlolela yombini, bangazinikeli kwiwayini eninzi, bangangxameli nzuzo imbi;
3:9b.1TI.003.009 mababe nemfihlo yokholo esazeleni esihlambulukileyo.
3:10b.1TI.003.010 Nabo aba ke mabacikidwe ukuqala; bandule ke ukulungiselela, bengabangenakumangaleleka.
3:11b.1TI.003.011 Kwangokunjalo abafazi bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ngabahlebi; mababe ziingcathu, bathembeke ezintweni zonke.
3:12b.1TI.003.012 Abalungiseleli mababe ngamadoda abafazi ngabanye, besongamela kakuhle abantwana nezindlu ezizezabo.
3:13b.1TI.003.013 Kuba abo balungiselele kakuhle, bazizuzela isimo esihle, nokungafihlisi okukhulu ekukholweni, okukuKristu Yesu.
3:14b.1TI.003.014 Ezi zinto ndizibhala kuwe, ndithembe ukuba ndiya kuza kuwe kamsinya.
3:15b.1TI.003.015 Ukuba ke ndithe ndalibala, ndikubhalela ukuze wazi, ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo, yona ilibandla likaThixo ophilileyo, intsika nesiseko sayo inyaniso.
3:16b.1TI.003.016 Kananjalo, ngokuvunyiweyo, inkulu imfihlelo yona leyo yokuhlonela uThixo: lowo wabonakalaliswa esenyameni, wagwetyelwa esemoyeni, wabonakala kwizithunywa zezulu, wavakaliswa phakathi kweentlanga, kwakholwa kuye ehlabathini, wenyuswa waba sebuqaqawulini.
4
4:1b.1TI.004.001 Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon;
4:2b.1TI.004.002 imka nohanahaniso lwabathetha ubuxoki, betshiswe isazela sabo ngentsimbi;
4:3b.1TI.004.003 bengavumi ukuba kuzekwe, nokuba kudliwe izinto ezadalwa nguThixo, ukuze zamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso.
4:4b.1TI.004.004 Ngokuba sonke isidalwa sikaThixo sihle; asiyonto yakulahlwa, ukuba samkelwe ngombulelo;
4:5b.1TI.004.005 kuba singcwaliswa ngalo ilizwi likaThixo nangezibongozo.
4:6b.1TI.004.006 Ukuba uthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, woba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo.
4:7b.1TI.004.007 Ke zona iintsomi ezihlambelayo zamaxhegokazi zimangale. Ziqhelise ukuhlonela uThixo.
4:8b.1TI.004.008 Kuba eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho.
4:9b.1TI.004.009 Lithembekile ilizwi elo, lifanelwe kukwamkelwa konke.
4:10b.1TI.004.010 Kuba sibulalekela, singcikivelwe oko; ngokuba sithembele kuThixo ophilileyo, onguMsindisi wabantu bonke, ngokukodwa owabakholwayo.
4:11b.1TI.004.011 Bathethele ezi zinto, ufundise zona.
4:12b.1TI.004.012 Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu.
4:13b.1TI.004.013 Nyamekela imfundo, uvuselelo, imfundiso, ndide ndifike.
4:14b.1TI.004.014 Ungasihilizeli isipho esingokubabalwa, esikuwe; owasinikwayo ngesiprofeto, kunye nokubekwa izandla yintlanganiso yamadoda amakhulu.
4:15b.1TI.004.015 Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke.
4:16b.1TI.004.016 Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.
5
5:1b.1TI.005.001 Indoda enkulu musa ukuyithethisa kabukhali, yiyale njengoyihlo; amancinane, njengabazalwana;
5:2b.1TI.005.002 abafazi abakhulu, njengoonyoko; abancinane, njengoodade, unobunyulu bonke.
5:3b.1TI.005.003 Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngenene.
5:4b.1TI.005.004 Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo.
5:5b.1TI.005.005 Ke yena ongumhlolokazi ngenene, eshiywe yedwa, uthembela kuThixo; uhlala ehleli ekukhungeni nasemithandazweni ubusuku nemini.
5:6b.1TI.005.006 Kodwa yena oxhamla iziyolo ufile, nakuba ngathi udla ubomi.
5:7b.1TI.005.007 Bathethele ezi zinto, ukuze bangabi nakukhalazeleka.
5:8b.1TI.005.008 Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo.
5:9b.1TI.005.009 Makangabalelwa enanini labahlolokazi umhlolokazi ongaphantsi kweminyaka emashumi mathandathu; owayengumfazi wandoda-nye,
5:10b.1TI.005.010 engqinelwe ngemisebenzi emihle, ukuba wondle abantwana, ukuba wamkele iindwendwe, ukuba uzihlambile iinyawo zabangcwele, ukuba ubasizile ababandezelweyo, ukuba usukelene nemisebenzi yonke elungileyo.
5:11b.1TI.005.011 Ke bona abahlolokazi abatsha bamangale; kuba xa bathe badimala nguKristu, bothanda ukwenda;
5:12b.1TI.005.012 benesigwebo sokuba balutshitshisile ukholo lokuqala.
5:13b.1TI.005.013 Kunye noko ke bafunda ukungasebenzi nto, bethungelana nezindlu; banganeli kungasebenzi nto kodwa, basuka kananjalo babe ngamapholopholo, bazifake kwizinto zabanye, bathethe izinto ezingafanelekileyo.
5:14b.1TI.005.014 Ngoko ndinga abahlolokazi abatsha bangenda, bazale, babe ngabanikazi-mizi, bangamniki ochasayo nalinye ithuba lokutshabhisa.
5:15b.1TI.005.015 Kuba inxenye iseyiphambukele emva koSathana.
5:16b.1TI.005.016 Ukuba kukho ikholwa, nokuba likholwakazi, elinabahlolokazi, malibasize, lize ibandla lingasindwa, ukuze lona lisize abangabahlolokazi ngenene.
5:17b.1TI.005.017 Amadoda amakhulu, awongamela kakuhle, makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindwe kabini, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni.
5:18b.1TI.005.018 Kuba sitsho isibhalo ukuthi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe.
5:19b.1TI.005.019 Ukumangalelwa kwendoda enkulu musa ukukwamkela, kungabangakho mangqina mabini nokuba mathathu.
5:20b.1TI.005.020 Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika.
5:21b.1TI.005.021 Ndiyakuqononondisa emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani.
5:22b.1TI.005.022 Ungangxami ubeke izandla phezu kukabani, kanjalo ungadlelani nabanye ngezono zabo; zigcine nyulu.
5:23b.1TI.005.023 Musa ukuba sasela manzi; sela intwana yewayini, ngenxa yesisu sakho, nobulwelwe bakho obufuthi.
5:24b.1TI.005.024 Izono zabanye abantu zisekuhleni kanye, ziyandulela ukuya emgwebeni; abanye ke ziyabalandela nokubalandela.
5:25b.1TI.005.025 Kwangokunjalo nemisebenzi emihle isekuhleni kanye, naleyo ingenjalo ayinako ukufihlakala.
6
6:1b.1TI.006.001 Onke ke amakhoboka aphantsi kwedyokhwe, ndinga ke angababalela abaniniwo ekuthini, bafanelwe yimbeko yonke, ukuze igama likaThixo nemfundiso inganyeliswa.
6:2b.1TI.006.002 Lawo ke ankosi zikholiweyo, makangazideli ngakuba zingabazalwana; makube kukhona azikhonzayo, ngokuba zingamakholwa, ziziintanda ezingamadlelana ngomsebenzi wokusiza. Bafundise ezi zinto, ubavuselele.
6:3b.1TI.006.003 Ukuba umntu ufundisa mfundiso yimbi, angavumani namazwi aphilileyo angaweNkosi yethu uYesu Kristu, nemfundiso engokokuhlonela uThixo:
6:4b.1TI.006.004 uthiwe lwale likratshi, engazi lutho kakuhle; ufa kukukhanuka iimbuzwano namaphike amazwi, ekuthi kwezo nto kuphume umona, iinkani, izinyeliso, izirhano ezingendawo,
6:5b.1TI.006.005 iimpikiswano zochuku lwabantu abonakele iingqiqo, abahluthwe inyaniso, beba ukuhlonela uThixo kukusekeleza inzuzo.
6:6b.1TI.006.006 Ke kona ukuhlonela uThixo, kundawonye nokwanela, kusekeleze inzuzo enkulu.
6:7b.1TI.006.007 Kuba sibe singangenanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto.
6:8b.1TI.006.008 Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masanele zezo zinto.
6:9b.1TI.006.009 Ke abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni, nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni, nasekutshabalaleni.
6:10b.1TI.006.010 Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi.
6:11b.1TI.006.011 Ke wena, mntu kaThixo, zibaleke ezo zinto; phuthuma ke ubulungisa, ukuhlonela uThixo, ukholo, uthando, unyamezelo, ubulali.
6:12b.1TI.006.012 Wuzame umzamo omhle wokholo; bubambe ubomi obungunaphakade, owabizelwa nokubizelwa kubo, waza waluvuma uvumo oluhle emehlweni amangqina amaninzi.
6:13b.1TI.006.013 Ndiyakuthethela emehlweni kaThixo, ozidlisa ubomi zonke izinto, nasemehlweni kaKristu Yesu, owangqina wavuma uvumo oluhle phambi koPontiyo Pilato,
6:14b.1TI.006.014 ukuba uwugcine umthetho lo, ungabi nabala, ungabi nakukhalazelwa, kude kufike ukubonakala kweNkosi yethu uYesu Kristu,
6:15b.1TI.006.015 aya kukubonakalisa ngawakhe amaxesha; lowo usikelelekileyo, ukuphela konamandla, uKumkani kakumkani, uNkosi kankosi;
6:16b.1TI.006.016 okuphela konokungafi, ehleli ekukhanyeni okungenakusondelwa; ekungekho namnye kubantu owakha wambona, nonako ukumbona; kuye makubekho imbeko namandla angunaphakade. Amen.
6:17b.1TI.006.017 Abazizityebi kweli phakade langoku bathethele bangakratshi, bangathembeli butyebini bungagqalekiyo; mabathembele kuThixo ophilileyo, obeka phambi kwethu izinto zonke ngokobutyebi, ukuba zidliwe;
6:18b.1TI.006.018 benze okulungileyo, babe zizityebi zemisebenzi emihle, babe nokwaba kakuhle, babe nobudlelane;
6:19b.1TI.006.019 baziqwebele isiseko esihle, base exesheni eliza kuza, ukuze babubambe ubomi obungunaphakade.
6:20b.1TI.006.020 Wa, Timoti, loo nto uyiphathisiweyo yigcine, uphambuke ezintethweni ezingezizo, ezihlambelayo, nakwiinkcaso zokwazi, okubizwa njalo kuxokwa;
6:21b.1TI.006.021 abasuke abathile, bethe banako oku kwazi, baluphosa ukholo. Ubabalo malube nawe. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. 1 Timothy (Xhosa). 1 Timothy (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C415-3