1 Thessalonians (Xhosa)

1 Thessalonians (Xhosa)

1

1:1b.1TH.001.001 UPawulos noSilvano noTimoti babhalela ibandla labaseTesalonika elikuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu, Kristu; bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.

1:2b.1TH.001.002 Sihlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu nonke; sinikhumbula emithandazweni yethu;

1:3b.1TH.001.003 singayeki ukuwukhumbula umsebenzi wenu wokholo, nokubulaleka kwenu kothando, nokunyamezela kwenu kokuthemba iNkosi yethu uYesu Kristu, phambi koThixo uBawo wethu;

1:4b.1TH.001.004 sikwazi, bazalwana bathandiweyo nguThixo, ukunyulwa kwenu.

1:5b.1TH.001.005 Ngokuba iindaba ezilungileyo zethu azibangakho kuni ngantetho yodwa; zabakho nangamandla, nangoMoya oyiNgcwele, nangenkoloseko enkulu, njengoko naziyo ukuba saba ngabanjani na phakathi kwenu ngenxa yenu.

1:6b.1TH.001.006 Nani naba ngabaxelisa thina nayo iNkosi, nalamkelayo nje ilizwi nisembandezelweni eninzi, ninovuyo loMoya oyiNgcwele;

1:7b.1TH.001.007 nada naba yimifuziselo kubo bonke abakholwayo, abakwelaseMakedoni nelaseAkaya.

1:8b.1TH.001.008 Kuba lahlokoma livela kuni ilizwi leNkosi, akwaba khona kwelaseMakedoni nelaseAkaya lodwa; kusuke ezindaweni zonke ukukholwa kwenu kuThixo kwaduma, ngokokude kungabi safuneka ukuba sithethe nto.

1:9b.1TH.001.009 Kuba bona ngokwabo baxela ngathi, ukuba kwakunjani na ukungena kwethu kuni, nokokuba nathini na ukuguqukela kuThixo, niphuma kuzo izithixo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo oyinyaniso,

1:10b.1TH.001.010 nilinde uNyana wakhe evela emazulwini, awamvusayo kwabafileyo, kwauYesu, osihlangulayo kuyo ingqumbo ezayo.

2

2:1b.1TH.002.001 Kuba nikwazi ngokwenu, bazalwana, ukuba ukungena kwethu kuni akulambathanga;

2:2b.1TH.002.002 sesuka, nakuba besive ubunzima ngenxa engaphambili, siphethwe kakubi eFilipi, njengoko naziyo, asafihlisa, sikuye uThixo wethu, ukuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sinomzamo omkhulu.

2:3b.1TH.002.003 Kuba uvuselelo lwethu aluphumi kulahlekiseni, lungaphumi nasekungcoleni, lungekhona nasenkohlisweni.

2:4b.1TH.002.004 Sithi, njengoko sicikidiweyo nguThixo, ukuba siphathiswe iindaba ezilungileyo, senjenjalo ukuthetha; singangi sikholisa abantu, kuba sikholisa uThixo ozicikidayo iintliziyo zethu.

2:5b.1TH.002.005 Kuba kananjalo, njengoko naziyo, asizanga sibe nantetho yakucengacenga, namkhusane wakubawa, uThixo ulingqina;

2:6b.1TH.002.006 singafuni nokufuna luzuko bantwini, nokuba kukuni, nokuba kukwabanye; nakuba besinokuba ngumthwalo ngokwabapostile bakaKristu.

2:7b.1TH.002.007 Thina ke sisuke sathantamisa phakathi kwenu njengomdlezana osukuba ebagcinile abakhe abantwana;

2:8b.1TH.002.008 ngokunjalo sinilangazelela nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunabela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabele nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintanda kuthi.

2:9b.1TH.002.009 Kuba niyakukhumbula, bazalwana, ukubulaleka kwethu nemigu yethu; kuba sazivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni.

2:10b.1TH.002.010 Ningamangqina nina kwanoThixo, ukuba saba njani na ukuba ngcwele, nokuba nobulungisa, nokungabi nakusoleka kuni bakholwayo;

2:11b.1TH.002.011 kwanjengoko naziyo nonke ngabanye, ukuba besixelisa uyise kubantwana bakhe, siniyala, sinikhuza, siniqononondisa,

2:12b.1TH.002.012 ukuba nihambe ngokumfaneleyo uThixo, onibizelayo kobakhe ubukumkani nobuqaqawuli.

2:13b.1TH.002.013 Ngenxa yoko, nathi siyabulela kuye uThixo singayeki, okokuba nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela, njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenza kuni bakholwayo.

2:14b.1TH.002.014 Kuba nina, bazalwana, naba ngabaxelisa amabandla kaThixo akwelakwaYuda, akuKristu Yesu; ngokuba neva kwaobo bunzima nani ngabesizwe sakowenu, babuvayo nabo ngokwabo kuwe amaYuda;

2:15b.1TH.002.015 wona ayibulalayo iNkosi uYesu kwanabawo abaprofeti, asitshutshisa nathi, engamkholosi uThixo, echasene nabantu bonke;

2:16b.1TH.002.016 esalela thina ukuba sithethe kuzo iintlanga, ukuze zisindiswe, esenzela ukuba azalise izono zawo ngamaxesha onke. Iwafikele ke ingqumbo, kwada kwasekupheleni.

2:17b.1TH.002.017 Thina ke, bazalwana, sanihluthwayo nje ixesha elifutshane ngesiqu, kungengantliziyo, sakhuthalela ngokugqithiseleyo ukububona ubuso benu, sinqwena kakhulu.

2:18b.1TH.002.018 Kungoko sathandayo ukuza kuni, mna Pawulos lo, kwakanye nakabini; wesuka uSathana wasibambezela.

2:19b.1TH.002.019 Kuba liyintoni na ithemba lethu, novuyo lwethu, nesithsaba sethu soqhayiso? Asinini aba na, phambi kweNkosi yethu uYesu Kristu ekufikeni kwayo?

2:20b.1TH.002.020 Inene, nini uzuko novuyo lwethu.

3

3:1b.1TH.003.001 Kungoko kwathi, singasenakuzibamba, kwakholeka kuthi ukuba sisale eAtene sedwa.

3:2b.1TH.003.002 Sathuma uTimoti, umzalwana wethu, umlungiseleli kaThixo, osebenza nathi ezindabeni ezilungileyo zikaKristu, ukuze anizimase, anivuselele ngenxa yokholo lwenu,

3:3b.1TH.003.003 kungabikho namnye ushukunyiswayo zezi mbandezelo; kuba nisazi ngokwenu ukuba simiselwe zona.

3:4b.1TH.003.004 Kuba xenikweni besikuni, sanixelela ngenxa engaphambili ukuba siza kubandezelwa; njengokuba kwaba njalo, nani niyazi.

3:5b.1TH.003.005 Ngenxa yoko nam ndithe, ndingasenakuzibamba, ndathumela ukuba ndilwazi ukholo lwenu, hleze abe unihendile uMhendi, saba sifuma ne sabulaleka.

3:6b.1TH.003.006 Ngoku ke uTimoti, efikile nje kuthi evela kuni, wasishumayeza iindaba ezilungileyo zokholo nezothando lwenu; nokuba nihlala ninokusikhumbula okuhle, nilangazelela ukusibona, kwanjengokuba nathi silangazelela ukunibona.

3:7b.1TH.003.007 Ngenxa yoko sithuthuzelekile, bazalwana, nini, kuyo yonke imbandezelo nengxakeko yethu ngalo ukholo lwenu;

3:8b.1TH.003.008 ngokuba ngoku siphilile, ukuba nina nithi nime eNkosini.

3:9b.1TH.003.009 Kuba singambuyekeza ngambulelo mni na uThixo ngani, kulo lonke uvuyo esivuya ngalo ngenxa yenu phambi koThixo wethu,

3:10b.1TH.003.010 ubusuku nemini sikhunga ngokugqithiseleyo kakhulu, ukuba sibubone ubuso benu, sikuzalise ukusilela kokholo lwenu?

3:11b.1TH.003.011 Wanga ke uThixo ngokwakhe, uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu, angayilungisa indlela yethu yokuza kuni.

3:12b.1TH.003.012 Yanga ke iNkosi inganandisa, inityebise eluthandweni, omnye komnye nakubo bonke, kwanjengokuba nathi sisenjenjalo kuni;

3:13b.1TH.003.013 ukuze izizimase iintliziyo zenu, zingabi nakusoleka, zibe ngcwele phambi koThixo uBawo wethu, ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu nabo bonke abangcwele bayo.

4

4:1b.1TH.004.001 Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi.

4:2b.1TH.004.002 Kuba niyazi ukuba zaba ziziyalo zini na, esaniyala ngazo ngeNkosi uYesu.

4:3b.1TH.004.003 Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo;

4:4b.1TH.004.004 ukuba elowo kuni akwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya enobungcwalisa, enembeko;

4:5b.1TH.004.005 angathabatheki yinkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo;

4:6b.1TH.004.006 ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo; ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezi zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa.

4:7b.1TH.004.007 Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni.

4:8b.1TH.004.008 Ngako oko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele.

4:9b.1TH.004.009 Ke kaloku, ngalo uthando lobuzalwana, akufuneki ukuba ndinibhalele; kuba nina ngokwenu ningabafundiswe nguThixo ukuba nithandane;

4:10b.1TH.004.010 kuba okunene niyakwenza oko kubo bonke abazalwana abakwelaseMakedoni liphela. Siyanivuselela ke, bazalwana, ukuba nikhule kuko oko ngakumbi;

4:11b.1TH.004.011 nokuba nizondelele ukuba nizole, nenze ezenu izinto, nisebenze ngezenu izandla, njengoko saniyalayo;

4:12b.1TH.004.012 ukuze nihambe ngokuzibekileyo ngakwabo bangaphandle, ningasweli nto.

4:13b.1TH.004.013 Ke kaloku andithandi ukuba ningazi, bazalwana, mayela nabalele ukufa, ukuze ningabi buhlungu njengabanye abangenathemba bona.

4:14b.1TH.004.014 Kuba xa sikholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka, kwangokunjalo naye uThixo woza nabo abalele ukufa ngaye uYesu, kunye naye.

4:15b.1TH.004.015 Kuba oku siyakutsho kuni ngelizwi leNkosi ukuthi, thina babudlayo ubomi, baya kuba besekho ekufikeni kweNkosi, asisayi kubaphangela abalele ukufa.

4:16b.1TH.004.016 Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala;

4:17b.1TH.004.017 sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi.

4:18b.1TH.004.018 Ngoko ke thuthuzelanani ngala mazwi.

5

5:1b.1TH.005.001 Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufuneki nganto ukuba ndinibhalele;

5:2b.1TH.005.002 kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo.

5:3b.1TH.005.003 Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde.

5:4b.1TH.005.004 Ke nina, bazalwana, anisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela.

5:5b.1TH.005.005 Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama.

5:6b.1TH.005.006 Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu.

5:7b.1TH.005.007 Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku.

5:8b.1TH.005.008 Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso.

5:9b.1TH.005.009 Ngokuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;

5:10b.1TH.005.010 owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye.

5:11b.1TH.005.011 Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nakhane, kwanjengokuba nisenjenjalo.

5:12b.1TH.005.012 Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo,

5:13b.1TH.005.013 nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo. Hlalani ninoxolo phakathi kwenu.

5:14b.1TH.005.014 Siyanivuselela ke, bazalwana, balulekeni abanxaxhayo; bakhuzeni abamxhelo mncinane; basekeleni abathambileyo; yibani nokuzeka kade umsindo kubantu bonke.

5:15b.1TH.005.015 Lumkani, kungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi nakubani; hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye, nakubantu bonke.

5:16b.1TH.005.016 Hlalani nivuya.

5:17b.1TH.005.017 Thandazani ningayeki.

5:18b.1TH.005.018 Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.

5:19b.1TH.005.019 UMoya musani ukumcima.

5:20b.1TH.005.020 Iziprofeto musani ukuzenza into engento.

5:21b.1TH.005.021 Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle.

5:22b.1TH.005.022 Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo.

5:23b.1TH.005.023 Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu.

5:24b.1TH.005.024 Uthembekile onibizayo, oya kukwenza nokukwenza oko.

5:25b.1TH.005.025 Bazalwana, sithandazeleni.

5:26b.1TH.005.026 Babuliseni abazalwana bonke ngolwango olungcwele.

5:27b.1TH.005.027 Ndiyanifungisa iNkosi ukuba le ncwadi ileswe kubo bonke abazalwana abangcwele.

5:28b.1TH.005.028 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani. Amen.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. 1 Thessalonians (Xhosa). 1 Thessalonians (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C40F-B