2 Corinthians (Xhosa)

2 Corinthians (Xhosa)

1

1:1b.2CO.001.001 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, kunye nabo bonke abangcwele abakwelaseAkaya liphela:

1:2b.2CO.001.002 uthi, makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo, uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.

1:3b.2CO.001.003 Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uSozimfefe, uThixo onako konke ukuthuthuzela,

1:4b.2CO.001.004 osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo.

1:5b.2CO.001.005 Ngokuba, njengokuba iintlungu zikaKristu ziphuphumela kuthi, ngokunjalo ithi nentuthuzelo yethu iphuphume ngoKristu.

1:6b.2CO.001.006 Nokuba na ke siyabandezelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina, ukusindisa ke okusebenzayo ngokunyamezela kwenu kwa-ezo ntlungu sizivayo nathi; nokuba na ke siyathuthuzelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina.

1:7b.2CO.001.007 Kanjalo ithemba lethu ngani liqinisekile; sisazi ukuba, njengokuba ningamadlelane nathi ngazo iintlungu, ngokunjalo niyakuba ngawo nangentuthuzelo.

1:8b.2CO.001.008 Kuba asithandi ukuba ningayazi, bazalwana, imbandezelo yethu eyasihlelayo kwelaseAsiya: ukuba saxineka ngokuncamisileyo, ngaphezu kwamandla ethu, ngokokude sibuncame kanye nobomi.

1:9b.2CO.001.009 Sasuka ngokwethu saba nesigwebo sokufa ngaphakathi kwethu, ukuze singabi ngabasazithembayo, sithembele kuThixo lo ubavusayo abafileyo;

1:10b.2CO.001.010 owasihlangulayo ekufeni okungako, osihlangulayo nangoku; esithembele kuye ukuba usaya kusihlangula:

1:11b.2CO.001.011 nakubon’ ukuba niyancedisa nani ngokusikhungela, ukuze isipho esingokubabalwa, esenzelwe sona thina ngabantu abaninzi, sibulelwe ngabaninzi ngenxa yethu.

1:12b.2CO.001.012 Kuba oko kuqhayisa kwethu kukungqina kwesazela sethu, ukuba sithe ehlabathini apha, ngokukodwa ke kuni, sahlala singabangenakumbi, sinokungcwengeka okuvela kuThixo, singenabulumko bubobenyama, sinobabalo lukaThixo.

1:13b.2CO.001.013 Kuba asinibhaleli zimbi izinto, ikwazezo nizilesayo, nizaziyo kakuhle. Ndiyathemba ke ukuba niya kuzazi kakuhle, kude kuse nasekupheleni,

1:14b.2CO.001.014 njengokuba nasaziyo kakuhle ngokuyinxenye, ukuba siliqhayiya lenu, kwanjengokuba nani nilelethu ngemini yeNkosi uYesu.

1:15b.2CO.001.015 Ndinaloo nkoloseko ke, ndanqwenela ukunga ndingeza kuni kuqala, ukuze nibabalwe okwesibini;

1:16b.2CO.001.016 ndize ndicande kuni ukuya kwelaseMakedoni; ndibuye, ndivela kwelaseMakedoni, ndize kuni, ndiphelekelelwe nini ukuya kwelakwaYuda.

1:17b.2CO.001.017 Xa ngoko ndandifuna oko, ndandifeketha na kanti? Okanye izinto endizicebayo, ndiziceba ngokwenyama yini na ukuze nje kubekho kum uewe, ewe; nohayi, hayi?

1:18b.2CO.001.018 Ethembekile nje ke uThixo, ilizwi lethu kuni alibanga nguewe nohayi.

1:19b.2CO.001.019 Kuba yena okaThixo uNyana, uYesu Kristu, owavakaliswayo phakathi kwenu sithi (ndim ke noSilvano noTimoti), akabanga nguewe nohayi; kuye nguewe kwakanye;

1:20b.2CO.001.020 kuba ngangoko angako amadinga kaThixo, uewe ukuye, noamen ukuye, ukuze kuzukiswe uThixo ngathi.

1:21b.2CO.001.021 Osiqiniselayo ke ndawonye nani kuKristu, osithambisayo ke, nguThixo;

1:22b.2CO.001.022 ositywine wasiqinisa, wasinika isinyaniso soMoya, saba sezintliziyweni zethu.

1:23b.2CO.001.023 Mna ke ndibiza uThixo, ukuba abe lingqina emphefumlweni wam, ukuba kungokunivela, endithe ndaba andikezi eKorinte.

1:24b.2CO.001.024 Anditsho ngakulugagamela ukholo lwenu; nditsho ngokuba singabasebenza nani uvuyo lwenu; kuba nimi ngokholo.

2

2:1b.2CO.002.001 Mna ke okwam, ndagqiba kweli lokuba ndingabuyi ndize kuni ndibuhlungu.

2:2b.2CO.002.002 Kuba mna ukuba ndinenza buhlungu, kusekho bani na ke ondenza ndibe nemihlali, ongenguye lowo wenziwe wabuhlungu kwandim?

2:3b.2CO.002.003 Ndanibhalela ke kwakona oku, ukuze ndakufika ndingabi buhlungu ngabo bendimelwe kukuvuya ngabo; ndikholosile ngani nonke, ukuba uvuyo lwam ikwalolwenu nonke.

2:4b.2CO.002.004 Kuba ndanibhalela ekubandezelekeni nasekuxinezelekeni okukhulu kwentliziyo yam, ndineenyembezi ezininzi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithiseleyo.

2:5b.2CO.002.005 Ke ukuba ubani wenze kwabuhlungu, akenze kwabuhlungu mna, wenze ngenxenye nina nonke; nditsho ukuze ndingamcinezeli.

2:6b.2CO.002.006 Kumanele lowo unjalo oko kumkhalimela kwabona baninzi kuni;

2:7b.2CO.002.007 ngokokude nithi kanye senimxolela, nimthuthuzele, hleze lowo unjalo aselesuka edliwa kukuba buhlungu ngokugqithiseleyo.

2:8b.2CO.002.008 Kungoko ndiniyalayo, ndithi, luzinziseni uthando kuye;

2:9b.2CO.002.009 kuba ndabhalela kona oku, ukuze ndikwazi ukucikideka kwenu, ukuba ningabevayo na ezintweni zonke.

2:10b.2CO.002.010 Enimxolelayo ke into, ndiyamxolela nam; kuba nam, ukuba ndixolele into endiyixoleleyo, ndenze ngenxa yenu, phambi kukaKristu;

2:11b.2CO.002.011 ukuze singabonelelwa nguye uSathana; kuba amaqhinga akhe siyawazi.

2:12b.2CO.002.012 Ke kaloku, ndathi ndakufika eTrowa ngenxa yeendaba ezilungileyo zikaKristu, ndakuba ndiwuvulelwe nomnyango eNkosini,

2:13b.2CO.002.013 andibanga nakonwaba emoyeni wam, ngokungamfumani uTito, umzalwana wam; ndesuka ndababulisa, ndanduluka ndava kwelaseMakedoni.

2:14b.2CO.002.014 Makubulelwe ke kuThixo, ohlala eduma ngathi sikuKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke.

2:15b.2CO.002.015 Ngokuba kuye uThixo silivumba elimnandi likaKristu, phakathi kwabasindiswayo naphakathi kwabatshabalalayo.

2:16b.2CO.002.016 Kwabanye silivumba lokufa elisa ekufeni; kwabanye silivumba lobomi elisa ebomini. Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto?

2:17b.2CO.002.017 Kuba asithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo; sisuka ngokwabokungcwengeka, sisuka ngokwabakwaThixo, sithethe phambi kwamehlo kaThixo, sikuKristu.

3

3:1b.2CO.003.001 Xa sitshoyo, singaba siyawaqala siziyaleze na? Okanye sifuna, njengabathile, kusini na, iincwadi zokuyalezwa kuni, nokuba zezokuyalezwa nini?

3:2b.2CO.003.002 Incwadi yethu thina, ebhalwe ezintliziyweni zethu, nini; iyaziwa, ileswa ngabantu bonke;

3:3b.2CO.003.003 nibonakalalisiwe nje ukuba niyincwadi kaKristu, eyalungiselelwa sithi, engabhalwanga ngainki, ebhalwe ngoMoya kaThixo ophilileyo; kungekhona emacwecweni amatye, kusemacwecweni angawenyama entliziyo.

3:4b.2CO.003.004 Sinenkoloseko enjalo ke kuThixo ngaye uKristu.

3:5b.2CO.003.005 Ukutsho andithi, sikulingene ngokwethu ukucamanga nto engathi iphuma kuthi ngokwethu; ukukulingana kwethu oko kuphuma kuThixo,

3:6b.2CO.003.006 osenze nokusenza sakulingana ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha; singabi ngabobhalo nje kodwa, sibe singabomoya; kuba ubhalo luyabulala, umoya ke udlisa ubomi.

3:7b.2CO.003.007 Ke kaloku, ukuba ulungiselelo olo lubulalayo, lukroliweyo ematyeni ngobhalo, lweza lunobuqaqawuli, ngokude oonyana bakaSirayeli bangabi nakuqwalasela ebusweni bukaMoses, ngenxa yobuqaqawuli bobuso bakhe, ubuqaqawuli ke obebuza kubhanga:

3:8b.2CO.003.008 lungathini na ulungiselelo lwakhe uMoya, ukungabi nobuqaqawuli ngokugqithiseleyo?

3:9b.2CO.003.009 Kuba, ukuba ulungiselelo olugwebayo lunobuqaqawuli, kokukhona luya kugqithisela ngobuqaqawuli ulungiselelo lobulungisa.

3:10b.2CO.003.010 Kuba kwanoko kwenziwe kwaba nobuqaqawuli, akwenziwanga kwaba nobuqaqawuli ngale ndawo, ngenxa ke yobuqaqawuli obu bona bubalaselayo.

3:11b.2CO.003.011 Kuba xa oko bekuza kubhanga kunobuqaqawuli, kokukhona oku kuhleliyo kunobuqaqawuli.

3:12b.2CO.003.012 Sinethemba elinjalo nje ke ngoko, kokukhona singafihlisiyo ukuthetha;

3:13b.2CO.003.013 singaxelisi uMoses, yena wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe, ukuze oonyana bakaSirayeli bangaqwalaseli esiphelweni soko bekuza kubhanga.

3:14b.2CO.003.014 Zesuka noko zaqaqadekiswa iingqiqo zabo; kuba nanamhla sisahleli kwaeso sigqubuthelo ekulesweni kwawo umnqophiso omdala, singabhenqwanga, nto leyo ke ibhangayo kuKristu.

3:15b.2CO.003.015 Kusuke kwada kwaba namhlanje, kusithi, xenikweni kuleswa uMoses, kusuke kubekho isigqubuthelo entliziyweni yabo.

3:16b.2CO.003.016 Ke xenikweni ithe ke yona yabuyela eNkosini sosuswa kuphele isigqubuthelo eso.

3:17b.2CO.003.017 INkosi ke inguye uMoya; apho ke akhoyo uMoya weNkosi, kubakho inkululeko.

3:18b.2CO.003.018 Thina ke sonke, sinobuso nje obubhenqwe isigqubuthelo, sibukhangela njengokwasesipilini ubuqaqawuli beNkosi, senziwa similise okwaloo mfanekiselo, sivela ebuqaqawulini sisinge ebuqaqawulini, kwanjengokuvela eNkosini enguMoya.

4

4:1b.2CO.004.001 Ngenxa yoko, sinalo nje olu lungiselelo, sithi, njengoko senzelwe inceba, singethi mandla;

4:2b.2CO.004.002 sisuke sazilahla izinto ezifihlakeleyo eziziintloni, singahambi ngobuqhetseba, singalikhohlakalisi ilizwi likaThixo; sisuka ngokuyibonakalalisa inyaniso siziyaleze kuso sonke isazela sabantu emehlweni kaThixo.

4:3b.2CO.004.003 Ukuba ke zigqutyuthelwe iindaba ezilungileyo zethu, zigqutyuthelwe kwabo batshabalalayo;

4:4b.2CO.004.004 athe uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo.

4:5b.2CO.004.005 Kuba asizivakalisi thina, sivakalisa uKristu Yesu ukuba uyiNkosi; sibe ke thina sizivakalisa ukuba singabakhonzi benu ngenxa kaYesu.

4:6b.2CO.004.006 Ngokuba nguThixo, yena wathi ukhanyiso malukhanye ebumnyameni, okhanyisele iintliziyo zethu, ukuze kukhanye ukwaziwa kobuqaqawuli bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu.

4:7b.2CO.004.007 Ke kaloku obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi.

4:8b.2CO.004.008 Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, singancami; sitshutshiswa, asiyekelwa;

4:9b.2CO.004.009 sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa;

4:10b.2CO.004.010 sihlala sikuthwele ngomzimba ukufa kweNkosi uYesu ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe emzimbeni wethu.

4:11b.2CO.004.011 Kuba thina badla ubomi simana sinikelwa ekufeni ngenxa kaYesu, ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe enyameni yethu enokufa.

4:12b.2CO.004.012 Ngoko ke kusebenza ukufa kuthi, ke kuni kusebenza ubomi.

4:13b.2CO.004.013 Sinawo nje ke kwaloo moya wokholo, ngokoko kubhaliweyo kwathiwa, Ndakholwa, kungoko ndathethayo: nathi ke siyakholwa, kungoko sithethayo nokuthetha;

4:14b.2CO.004.014 sisazi ukuba lowo wayivusayo iNkosi uYesu, uya kusivusa nathi ngoYesu, asimise phambi kwakhe, ndawonye nani.

4:15b.2CO.004.015 Kuba konke oko kungenxa yenu, ukuze luthi ubabalo, lwakuba lwandile ngabona baninzi, luwuphuphumise umbulelo, use ekuzukiseni uThixo.

4:16b.2CO.004.016 Kungoko singethi mandla; kuba nokuba umntu wethu wangaphandle uya esonakala, usuka yena owangaphakathi aye ehlaziyeka imihla ngemihla.

4:17b.2CO.004.017 Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade

4:18b.2CO.004.018 sakubon’ ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo. Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.

5

5:1b.2CO.005.001 Kuba siyazi ukuba, xa ithe yachithwa indlu yethu esemhlabeni, engulo mnquba, sinesakhiwo esiphuma kuThixo, indlu yona emazulwini, engenakwenziwa ngazandla, engunaphakade.

5:2b.2CO.005.002 Kuba kulo siyancwina, silangazelela ukwambatha, saleke indlu yethu yasemazulwini;

5:3b.2CO.005.003 ukuba siya kufunyanwa sambethe okunene, singeze.

5:4b.2CO.005.004 Kuba kwathina aba bakulo mnquba siyancwina sisindwa, kungengakuba sithanda ukuhlutywa; kungokuba sithanda ukwambathiswa saleke, ukuze okunokufa kufincwe bubomi.

5:5b.2CO.005.005 Ke kaloku lo usisebenzele kwaloo nto nguThixo, osinike nokusinika isinyaniso sakhe uMoya.

5:6b.2CO.005.006 Ngoko ke sihlala somelele, sisazi ukuba, sikowethu nje emzimbeni, sikude kowethu eNkosini

5:7b.2CO.005.007 (kuba sihamba ngokholo, asihambi ngakubona);

5:8b.2CO.005.008 somelele ke, sikholisiwe nokukholiswa kanye kukuba kude nekhaya lethu elisemzimbeni, sibekho kwikhaya lethu eliseNkosini.

5:9b.2CO.005.009 Kungoko sizondelela ukuthi, nokuba sisekhaya, nokuba sikude nekhaya, sibe ngabakholekileyo kuyo.

5:10b.2CO.005.010 Kuba thina aba sonke simelwe kukuthi sibonakalaliswe phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu, ukuze elowo azuziswe okwenziwe ngomzimba, ngoko akwenzileyo, nokuba kokulungileyo, nokuba kokubi.

5:11b.2CO.005.011 Sikwazi njalo ke ukoyikeka kweNkosi, sizamela ukuba beyiseke abantu; sibonakalalisiwe ke kuThixo, ndiyathemba ke ukuba nakuzo izazela zenu sibonakalalisiwe.

5:12b.2CO.005.012 Kuba asibuyi siziyaleze kuni; sininika ithuba lokuzingca ngathi; ukuze nibe nalo ilizwi ngakwabo bazingcayo ngobuso, bengazingci ngantliziyo.

5:13b.2CO.005.013 Kuba, nokuba siyageza, kungenxa kaThixo; nokuba sinengqondo ephilileyo, kungenxa yenu.

5:14b.2CO.005.014 Kuba lusifingile nje uthando lukaKristu, sigqibe kwelokuthi, ukuba ufele bonke emnye, ngoko bafile bonke abo;

5:15b.2CO.005.015 wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.

5:16b.2CO.005.016 Ngoko ke thina, sisusela kweli xesha, asisazi namnye ngokwenyama; nokuba ke besimazi uKristu ngokwenyama, kungoku asisamazi ngokwenyama.

5:17b.2CO.005.017 Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe.

5:18b.2CO.005.018 Zonke izinto ke ziphuma kuThixo, owasixolelanisa naye ngokwakhe ngoYesu Kristu, wasinika ulungiselelo loxolelaniso;

5:19b.2CO.005.019 olu ke lokokuba uThixo waye ekuKristu, elixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engazibaleli kubo iziphoso zabo, walimisa kuthi ilizwi loxolelaniso.

5:20b.2CO.005.020 Sizizigidimi ke ngoko ngenxa kaKristu, ngokungathi uThixo uniyala ngathi; siyanikhunga ngenxa kaKristu, manixolelaniswe naye uThixo;

5:21b.2CO.005.021 kuba lowo ungazani nasono, wamenza isono ngenxa yethu, ukuze thina sibe bubulungisa bukaThixo kuye.

6

6:1b.2CO.006.001 Sisebenzisana naye nje ke, siyaniyala, ukuba ubabalo lukaThixo ningafumane nilwamkele;

6:2b.2CO.006.002 kuba uthi, Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, Ndakusiza ngomhla wosindiso. Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso:

6:3b.2CO.006.003 kungabikho namnye esimmisela isikhubekiso, nokuba kukuwuphi na umcimbi, ukuze ulungiselelo lwethu lungabi nakubekwa bala;

6:4b.2CO.006.004 sisuka sithi emicimbini yonke siziqondakalise ngokwabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, sisezimbandezelweni, sisezingxakekweni, sisezingxinanweni,

6:5b.2CO.006.005 sinemivumbo, sisezintolongweni, siseziphithiphithini, sibulaleka, singalali, sizila ukudla,

6:6b.2CO.006.006 sinobunyulu, sinokwazi, sinokuzeka kade umsindo, sinobubele, sinoMoya oyiNgcwele, sinothando olungahanahanisiyo,

6:7b.2CO.006.007 sinelizwi lenyaniso, sinamandla kaThixo, sineentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo,

6:8b.2CO.006.008 sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle;

6:9b.2CO.006.009 ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso; ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku Sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singabulawa noko;

6:10b.2CO.006.010 ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.

6:11b.2CO.006.011 Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi.

6:12b.2CO.006.012 Anixinene kuthi, nixinene ezimfesaneni zenu.

6:13b.2CO.006.013 Umbuyekezo ke onjalo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani.

6:14b.2CO.006.014 Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama?

6:15b.2CO.006.015 Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali? Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo?

6:16b.2CO.006.016 Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.

6:17b.2CO.006.017 Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, Nento engcolileyo ningayichukumisi; Ndandiya kunamkela,

6:18b.2CO.006.018 Ndibe nguyihlo, Nina nibe ngoonyana neentombi kum; Itsho iNkosi uSomandla.

7

7:1b.2CO.007.001 Sinawo nje ngoko la madinga, zintanda, masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya sibufeza ubungcwele, sisoyika uThixo.

7:2b.2CO.007.002 Samkeleni ngeentliziyo zenu; asonanga mntu, asonakalisanga mntu, asiphanganga mntu.

7:3b.2CO.007.003 Anditsho ngakunigweba; kuba sendithe ngaphambili, nisezintliziyweni zethu ukuba sife nani, sidle ubomi nani.

7:4b.2CO.007.004 Ndinokungafihlisi okukhulu kuni, ndizingca kakhulu ngani; ndizele yintuthuzelo, ndiphuphuma uvuyo kakhulu kuyo yonke imbandezelo yethu.

7:5b.2CO.007.005 Kuba sithe sakufika kwelaseMakedoni, ayaba nakuphumla nakanye inyama yethu; sabandezelwa ngeenxa zonke, ngaphandle ikukulwa, ngaphakathi ikukoyika.

7:6b.2CO.007.006 Ke lowo ubathuthuzelayo abathobekileyo, uThixo ke, wasithuthuzela ngokufika kukaTito;

7:7b.2CO.007.007 akwaba ngakufika kwakhe ke kuphela, kwaba ngayo intuthuzelo awathuthuzeleka ngayo kuni, esityela ulangazelelo lwenu, isijwili senu, nokundizondelela kwenu, ngokokude ndivuye ngakumbi.

7:8b.2CO.007.008 Kuba nakuba ndikhe ndanenza nabuhlungu ngencwadi leyo, andizohlwayi, nakuba ndikhe ndazohlwaya; kuba ndiyabona ukuba loo ncwadi yanenza buhlungu, nakuba kwaba ngumzuzwana.

7:9b.2CO.007.009 Ngoku ke ndiyavuya, ndingavuyeli kuba neenziwa buhlungu, ndivuyela ukuba nenziwa buhlungu ngokwasinga enguqukweni; kuba nenziwa buhlungu ngokokukaThixo, ukuze ningalahlekwa nto ngathi.

7:10b.2CO.007.010 Kuba ubuhlungu obungokukaThixo busebenza inguquko esingisa elusindisweni, ekungekho kuzohlwaya ngayo; ke kona okwehlabathi ukuba buhlungu kusebenza ukufa.

7:11b.2CO.007.011 Kuba, yabonani, kwaoko kwenziwa kwenu buhlungu ngokukaThixo, kwanisebenzela ukunyameka okungakanana; nasuka naziphendulela, nasuka nacaphuka, nasuka noyika, nasuka nalangazelela, nasuka nazondelela, nasuka naphindezela! Ngeendawo zonke niziqondakalisile, ukuba kulo mcimbi nimsulwa nina okwenu.

7:12b.2CO.007.012 Ngoko ke, noko ndanibhalelayo, andikwenzanga oko ngenxa yalowo wamonayo omnye, kanjalo andikwenzanga ngenxa yalowo woniwayo; ndakwenzela ukuze kubonakalaliswe kuni ukuninyamekela kwethu emehlweni kaThixo.

7:13b.2CO.007.013 Ngenxa yoko, sithuthuzelekile ngenxa yokuthuthuzeleka kwenu; sakuvuyela ke ngokugqithiseleyo ngakumbi ukuvuya kukaTito; ngokuba waphunyuzwayo umoya wakhe nini nonke.

7:14b.2CO.007.014 Ngokuba ukuqhayisa endaqhayisa ngako ngani, andidaniswanga ngako; njengokuba sazithetha kuni izinto zonke sinyanisile, ngokunjalo nokuqhayisa kwethu oko phambi koTito kwaba yinyaniso.

7:15b.2CO.007.015 Imfesane yakhe isenkulu ngakuni ngokugqithiseleyo, akukhumbula ukumva kwenu nonke nokokuba namamkelayo ninokoyika nokugubha.

7:16b.2CO.007.016 Ndiyavuya ngoko, kuba ndomelezekile kuni ezintweni zonke.

8

8:1b.2CO.008.001 Ke kaloku, bazalwana, siyanazisa ubabalo lukaThixo oluhlakaziweyo phakathi kwamabandla akwelaseMakedoni;

8:2b.2CO.008.002 okokuba ekucikidweni kwawo okukhulu yimbandezelo, kuthe ukuphuphuma kovuyo lwawo, nobuhlwempu bawo obendeleyo, kwaphuphumela ekutyebiseni ukunyanisa kwawo.

8:3b.2CO.008.003 Ngokuba ndiyangqina ukuba bathe, ngokwamandla abo, ewe nangaphezu kwamandla, banikela ngokuqhutywa yintliziyo,

8:4b.2CO.008.004 besikhunga, besibongoza kakhulu, ukuba silwamkele ubabalo olo, ubudlelane ke obo bokulungiselela abangcwele.

8:5b.2CO.008.005 Abanelanga kwenza njengoko sathemba ngako; bathi kuqala bazinikela eNkosini, baza kamva bazinikela nakuthi ngokuthanda kukaThixo;

8:6b.2CO.008.006 ngokokude simyale uTito, ukuze athi, njengokuba ebeqalile, alufezele kuni ngokunjalo nolo lubabalo.

8:7b.2CO.008.007 Ke, kwanjengokuba niphuphuma iinto zonke, ukholo, nokuthetha, nokwazi, nokunyameka konke, nokusithanda kwenu, maniphuphume nakulo olu lubabalo.

8:8b.2CO.008.008 Anditsho ngakwammiselo; ukutsho, ndenziwa kukunyameka kwabanye, ndicikida nenyaniso yolwenu uthando;

8:9b.2CO.008.009 kuba niyalwazi ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu, okokuba yathi, ibisisityebi nje, yaba lihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bayo obo.

8:10b.2CO.008.010 Ngale ndawo ke ndinipha okwam ukubona; kuba oko kunilungele nina aba nayiqalayo kwanyakenye le nto; ananela kuyenza, nayithanda nokuyithanda.

8:11b.2CO.008.011 Ngoku ke yenzeni niyifeze loo nto, ukuze, kwanjengokuba bekukho intumekelelo yokuthanda, kwangokunjalo kubekho nokuyifeza ngeninako.

8:12b.2CO.008.012 Kuba intumekelelo, ukuba selikho, yamkeleka kakuhle ngokoko asukuba enako umntu, kungabi ngokoko angenako.

8:13b.2CO.008.013 Kuba andithi mabaphumle abanye, nibandezeleke nina;

8:14b.2CO.008.014 ndithi, ukuze kubekho ukulingana ngexesha lakalokunje, ukuphuphuma kwenu makufikelele ekusileleni kwabo; ukuze nokuphuphuma kwabo kufikelele ekusileleni kwenu, ukuze ke kubekho ukulingana;

8:15b.2CO.008.015 njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Owabutha kakhulu akabanga nakusalelayo; nowabutha kancinane akabanga nakusilela.

8:16b.2CO.008.016 Makubulelwe ke kuThixo, ongenise kwaoko kuninyamekela entliziyweni kaTito.

8:17b.2CO.008.017 Ngokuba wasamkela okunene isiyalo; ke uthe, enyameke okunye, waphuma ngokuqhutywa yintliziyo, waya kuni.

8:18b.2CO.008.018 Sathuma ke kunye naye umzalwana odume phakathi kwawo onke amabandla, ngokuvakalisa iindaba ezilungileyo.

8:19b.2CO.008.019 Asikuphela ke oko; wanyulwa nokunyulwa ngawo amabandla, ukuba abe ngohamba nathi, nalo olu lubabalo lulungiselelwayo sithi, ukuze izukiswe iNkosi, nibe nokuthumekelela nina:

8:20b.2CO.008.020 silumkele oku, ukuba kungabikho mntu usibeka bala kule nyambalala yeminikelo ilungiselelwayo sithi;

8:21b.2CO.008.021 sikhathalele izinto ezintle, kungekhona emehlweni eNkosi yodwa, kukwanasemehlweni abantu.

8:22b.2CO.008.022 Sithume ke kunye nabo umzalwana wethu, esimcikide futhi ngeendawo ezininzi, samfumana ekhuthele; kokukhona akhuthele kakhulu, ekholose kakhulu ngani.

8:23b.2CO.008.023 Nokuba kuthethwa ntoni ngoTito, yazini ukuba ulidlelane nam, nomsebenzisi wam kuni; nokuba kuthethwa ngabazalwana bethu, yazini ukuba bangabathunywa bamabandla kaThixo, baluzuko lukaKristu.

8:24b.2CO.008.024 Lo mbonakalaliso ngoko wothando lwenu, nowokuzingca kwethu ngani, wubonakalaliseni kubo, naphambi kwamabandla.

9

9:1b.2CO.009.001 Kuba okunene ngako ukulungiselela abangcwele, akufuneki kona ukuba ndinibhalele.

9:2b.2CO.009.002 Kuba ndiyakwazi ukuthumekelela kwenu, endiqhayisa ngako ngani kwabelaseMakedoni, ndisithi elaseAkaya beliselilunge kwanyakenye; nokuzondelela kwenu kwaxhokonxa abona baninzi.

9:3b.2CO.009.003 Ke kaloku ndithume abazalwana, ukuze iqhayiya lethu elingani lingalanjathiswa ngale ndawo; ukuze nithi, njengokuba benditshilo, nibe senilungile;

9:4b.2CO.009.004 hleze kuthi, ukuba bathe bafika nam abelaseMakedoni, banifumana ningekalungi, sidaniswe thina (ukuba asingethi, kudane nina) koko kukholosa kokuqhayisa.

9:5b.2CO.009.005 Ngoko ndaba kuyafuneka ukubavuselela abazalwana, ukuba basandulele ukuya kuni, bayilungise ngaphambili intsikelelo yenu ebiselixeliwe ngaphambili; ilunge yona ngohlobo lwentsikelelo, ingangi yeyokuvimba.

9:6b.2CO.009.006 Qondani ke le nto: Lowo uhlwayela ngokuvimba wovuna kwangokuvimba; nalowo uhlwayela ngesisa wovuna kwangesisa.

9:7b.2CO.009.007 Elowo makanike njengoko agqibe ngako entliziyweni; makungabi kokuphuma kabuhlungu, nangokunyanzelwa; kuba uThixo uthanda umphi ochwayithileyo.

9:8b.2CO.009.008 Unako ke uThixo ukuphuphumisela kuni ubabalo lonke, ukuze nithi, nihlala ninako nje ukwanela konke ngeendawo zonke, niphuphumele emsebenzini wonke olungileyo;

9:9b.2CO.009.009 njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wasasaza, wapha abasweleyo; Ubulungisa bakhe buhleli ngonaphakade.

9:10b.2CO.009.010 Wanga ke angathi, ompha imbewu umhlwayeli, nesonka sokudliwa, aniphe ayandise imbewu yenu, ahlumise isiqhamo sobulungisa benu;

9:11b.2CO.009.011 nithi ngeendawo zonke nityetyiselwe ekunyaniseni konke, kona kusebenzayo ngathi umbulelo kuThixo.

9:12b.2CO.009.012 Ngokuba ulungiselelo lwalo mbuso alwaneli kuzalisela iintsilelo zabangcwele; lusuka kananjalo luphuphume imibulelo emininzi kuye uThixo;

9:13b.2CO.009.013 besithi nje, ngako ukucikideka kolo lulungiselelo, bamzukise uThixo ngenxa yokulululamela kwenu uvumo lwenu ngokusingisele kwiindaba ezilungileyo zikaKristu, nangenxa yokunyanisa kokudlelana kwenu ngokusingisele kubo nakubantu bonke;

9:14b.2CO.009.014 bakubon’ ukuba nabo bayanilangazelela, benikhungela ngenxa yobabalo lukaThixo oluncamisileyo kuni aba.

9:15b.2CO.009.015 Makubulelwe ke kuThixo ngenxa yesipho sakhe singenambali.

10

10:1b.2CO.010.001 Ke kaloku ndiyaniyala ngabo ubulali nokuthantamisa kukaKristu, mna Pawulos ngokwam, ndingothobekileyo kambe ngembonakalo, xa ndiphakathi kwenu, kodwa ndakuba ndingekho ndiba nobugagu kuni:

10:2b.2CO.010.002 ndiyakhunga ke, ukuze ndingathi, ndakuba ndikho, ndibe nobugagu ngoko kukholosa, ndiba ndoba nobuganga ngako kubo abathile, ababa sihamba ngokwenyama.

10:3b.2CO.010.003 Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama;

10:4b.2CO.010.004 kuba zona iintonga esiphuma ngazo umkhosi, azizezenyama; kuye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba;

10:5b.2CO.010.005 siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo; iingqiqo zonke sizithimbela ekumlulameleni uKristu;

10:6b.2CO.010.006 sizilungisele ukuphindezela konke ukungamlulameli, xa kuthe kwazaliseka okwenu ukumlulamela.

10:7b.2CO.010.007 Izinto nizikhangela ngokwembonakalo na? Ukuba umntu ukholose ngokuthi ungokaKristu, makabuye acinge oku ngokwakhe, ukuba njengokuba engokaKristu yena, ngokunjalo singabakaKristu nathi.

10:8b.2CO.010.008 Kuba, naxa bendingathi ndigqithisele ukuqhayisa ngalo igunya lethu, esalinikwayo yiNkosi ukuba sinakhe, singanichithi, bendingedaniyo;

10:9b.2CO.010.009 nditsho ukuze ndingangi ndifuna ukunoyikisa ngazo iincwadi ezi;

10:10b.2CO.010.010 ngokuba kuthiwa, Iincwadi ezi zakhe okunene zinzima, zinamandla; kodwa ke akubakho ngenkqu akanamandla, nokuthetha kwakhe akunto yanto.

10:11b.2CO.010.011 Onjalo ke makacinge le nto: njengoko sinjalo ngako ukuthetha ngeencwadi, sakuba singekho, sikwanjalo ngawo umsebenzi, sakuba sikho.

10:12b.2CO.010.012 Kuba asinabuganga bakuzibalela nakuzifanisa nabo abathile abaziyalezayo; bona abanangqondo, bezilinganisela nje kwakubo ngokwabo, bezifanisa nje nabo ngokwabo.

10:13b.2CO.010.013 Ke thina asisayi kuqhayisa sigqithise emlinganiselweni; soqhayisa ngokomlingani selo womda esiwabelwe nguThixo, ukuba ube ngumlinganiselo oya kufikelela nakuni.

10:14b.2CO.010.014 Kuba asizoluli ngokugqithiseleyo, ngathi asifikeleli kuni; kuba sesafikelelayo nakuni sineendaba ezilungileyo zikaKristu.

10:15b.2CO.010.015 Asiqhayisi sigqithise emlinganiselweni ngokubulaleka kwabanye; ke sinethemba, ukuba lwakukhula ukholo lwenu, siya kwenziwa bakhulu phakathi kwenu ngokomda wethu, sigqithisele,

10:16b.2CO.010.016 side sizishumayele iindaba ezilungileyo ezindaweni ezingaphaya kwenu; singaqhayisi ngesilinganiselo somnye, ngezinto ke esezilungisiwe.

10:17b.2CO.010.017 Oqhayisayo ke, makaqhayise ngeNkosi.

10:18b.2CO.010.018 Kuba oyena ucikidekileyo asingoziyalezayo, ngoyalezwa yiNkosi.

11

11:1b.2CO.011.001 Akwaba ningandi nyamezela kancinane ekusweleni kuqonda kwam! Kodwa noko niyandinyamezela.

11:2b.2CO.011.002 Kuba ndiyanikhweletela ngekhwele likaThixo; kuba ndanendisa ndodeni-nye, ukuze ndinimise phambi koKristu niyintombi enyulu.

11:3b.2CO.011.003 Ndiyoyika ke, hleze kuthi, njengokuba inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhetseba bayo, zonakaliswe ngokunjalo nani iingqiqo zenu, zimke ekunyaniseni kuye uKristu.

11:4b.2CO.011.004 Kuba kaloku, xa lowo uzayo avakalisa omnye uYesu, esingamvakalisanga thina, nokuba namkela moya wumbi enaningamkelanga wona, nokuba ziindaba ezilungileyo ezizimbi enaningamkelanga zona, beningaba kambe niyatyapha ukumnyamezela.

11:5b.2CO.011.005 Kuba ndiba andisilele nganto kwabona bapostile baziincamisa.

11:6b.2CO.011.006 Nakuba ke ndiliyilo ngentetho, andinjalo ngokwazi; sabonakala kuni phakathi kwabo bonke ngeendawo zonke.

11:7b.2CO.011.007 Ndenza isono na ngokuzithoba, ukuze niphakanyiswe nina, ngokuba ndanishumayezayo ngesisa iindaba ezilungileyo zikaThixo?

11:8b.2CO.011.008 Amanye amabandla kaThixo ndawabhunyula, ndisamkela umvuzo ukuze ndilungiselele nina.

11:9b.2CO.011.009 Kanjalo xa ndandikho kuni, ndiswele, andibanga mthwalo mntwini; kuba ukuswela kwam bakwenzelela abazalwana, bakuvela kwelaseMakedoni; ndathi ngeendawo zonke ndazigcina, andaba bunzima kuni, ndisaya kuzigcina nangoku.

11:10b.2CO.011.010 Ikum nje inyaniso kaKristu, ndithi olo luqhayiso aluyi kuvingcwa mlomo mayela nam, mna, kwimimandla yelaseAkaya.

11:11b.2CO.011.011 Ngani na ke? Ngokuba ndinganithandi na? Hayi, uThixo uyazi.

11:12b.2CO.011.012 Endikwenzayo ke ndiya kukwenza, ukuze ndibahluthe ithuba lokujinda abafuna ithuba; ukuze entweni abaqhayisa ngayo, bafunyanwe bekwanjengathi.

11:13b.2CO.011.013 Kuba abo banjalo ngabapostile ababuxoki, ngabasebenzi abakhohlisayo, bezimilisa okwabapostile bakaKristu.

11:14b.2CO.011.014 Ke akummangaliso oko, kuba noSathana ngokwakhe uzimilisa okwesithunywa sokukhanya.

11:15b.2CO.011.015 Akunto inkulu ke ngoko, ukuba abalungiseleli bakhe bazimilise okwabalungiseleli bobulungisa; abasiphelo siya kuba ngokwemisebenzi yabo.

11:16b.2CO.011.016 Ndibuya ndithi, Makungabikho mntu uba ndingoswele ukuqonda; okanye ke kambe, ndamkeleni njengoswele ukuqonda, ukuze ke ndiqhayise kancinane nam.

11:17b.2CO.011.017 Oku ndikuthethayo, andikuthethi ngokweNkosi; ndikuthetha ngokoswele ukuqonda, ndinoko kukholosa koqhayiso.

11:18b.2CO.011.018 Ekubeni bebaninzi ke abaqhayisa ngokwenyama, ndoqhayisa nam.

11:19b.2CO.011.019 Kuba niyabanyamezela ngovuyo abaswele ukuqonda, niziingqondi nje nina.

11:20b.2CO.011.020 Kuba kaloku niyanyamezela, ukuba umntu unenza amakhoboka, ukuba umntu uyanidla, ukuba umntu uyanibambisa, ukuba umntu uyaziphakamisa, ukuba umntu uyanibetha ebusweni.

11:21b.2CO.011.021 Ndithi, ndizihlaza, ngathi sasiswele amandla thina. Entweni ke asukuba umntu enobuganga (ndithetha ndinokuswela ukuqonda), ndinobuganga nam.

11:22b.2CO.011.022 BangamaHebhere na? Ndinguye nam. BangamaSirayeli na? Ndinguye nam. Bayimbewu ka-Abraham na? Ndiyiyo nam.

11:23b.2CO.011.023 Bangabalungiseleli bakaKristu na? (Ndithetha nxamnye nengqondo.) Ndithi ndingongaphezulu mna, ngokubulaleka okugqithiseleyo, ngemivumbo egqithe emgceni, ngokuba sezintolongweni ngokugqithiseleyo, ngokuba sekufeni futhi.

11:24b.2CO.011.024 KumaYuda ndazuza kahlanu imivumbo emashumi mane kwaphuke mnye.

11:25b.2CO.011.025 Kukathathu ndibethwa ngeentswazi, okunye ndaxulutywa ngamatye, ndaphukelwa ngumkhombe kathathu, ndenze ubusuku nemini enzulwini;

11:26b.2CO.011.026 ndithi ndingongaphezulu ngokuhamba okufuthi, ngeengozi zemilambo, ngeengozi zezihange, ngeengozi zamakowethu, ngeengozi zeentlanga, ngeengozi phakathi komzi, ngeengozi entlango, ngeengozi elwandle, ngeengozi phakathi kwabazalwana ababuxoki;

11:27b.2CO.011.027 ngokubulaleka nangemigu, ngokungabi nakulala okufuthi, ngokulamba nokunxanwa, ngokuzila ukudla okufuthi, ngengqele nobuze.

11:28b.2CO.011.028 Ndingasazibali zona izinto ezingaphandle kwezo, ndingungelwe imihla ngemihla kukuwaxhalela onke amabandla kaThixo.

11:29b.2CO.011.029 Ngubani na okha aswele amandla, ndingasweli mandla nam? Ngubani na okha akhutyekiswe, ndingatshiseki mna?

11:30b.2CO.011.030 Ukuba ndimelwe kukuqhayisa, ndoqhayisa ngezinto zokuswela amandla kwam.

11:31b.2CO.011.031 UThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, ongowokubongwa ngonaphakade, uyazi ukuba andixoki.

11:32b.2CO.011.032 EDamasko umphathi-luhlanga ka-Areta, ukumkani, wayewulinda umzi waseDamasko, efuna ukundibamba;

11:33b.2CO.011.033 ndaza ngekroba ndathotywa ngomnyazi eludongeni, ndasinda ezandleni zakhe.

12

12:1b.2CO.012.001 Ukuqhayisa okunene akundilungele; kuba ndiza kuza kwimibono nezityhilelo zeNkosi.

12:2b.2CO.012.002 Ndazi umntu okuKristu, ekusekuyiminyaka elishumi elinamine (nokuba ubesemzimbeni na andazi, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo), ethe lowo waxwilwa, wada wasiwa nakwelesithathu izulu.

12:3b.2CO.012.003 Ndiyamazi ke umntu onjalo (nokuba ubesemzimbeni na, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo),

12:4b.2CO.012.004 okokuba waxwilwa wasiwa eParadisi, weva amazwi angenakuthethwa, ekungavumelekileyo ukuba umntu awathethe.

12:5b.2CO.012.005 Onjalo ke ndiya kuqhayisa ngaye, kodwa andiyi kuqhayisa ngokwam nganto ikum; ingaba kungokuswela kwam amandla kodwa.

12:6b.2CO.012.006 Kuba xa bendingathi ndithande ukuqhayisa, bendingayi kuba ndiswele ukuqonda, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso; kodwa ndiyayeka, ukuze kungabikho bani ucinga ngam ngaphezu koko abona ndikuko, athi mhlawumbi akuve kum.

12:7b.2CO.012.007 Kwathi, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu ngenxa yezityhilelo eziyincamisa, ndanikwa uviko enyameni, isithunywa sikaSathana, ukuze sindintlithe, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu.

12:8b.2CO.012.008 Ndayibongoza kathathu iNkosi ngaso isithunywa eso, ukuba sisuke kum.

12:9b.2CO.012.009 Ithe yona kum, Ubabalo lwam lukwanele; kuba amandla am azalisekiswa ekuswelekeni kwamandla. Ngoko kokukhona sendiya kuqhayisa kamnandi kakhulu ngokuswela kwam amandla, ukuze ahlale phezu kwam amandla kaKristu.

12:10b.2CO.012.010 Kungoko ndikholisiweyo kukuswela amandla, kukuphathwa kakubi, ziingxakeko, ziintshutshiso, ziingxinano, ngenxa kaKristu; kuba xa sukuba ndiswele amandla, kuxa ndinamandla.

12:11b.2CO.012.011 Sendisuke ndaba ngoswele ukuqonda ngokuqhayisa; ndinyanzelwe nini. Kuba mna ndibe ndifanele ukuyalezwa nini; kuba andisilelanga nganto kubapostile abo baziincamisa, nakuba ndingento yanto.

12:12b.2CO.012.012 Imiqondiso yokuba ngumpostile, inene, yasetyenzwa phakathi kwenu ngokunyamezela konke, ngemiqondiso, nezimanga, nemisebenzi yamandla.

12:13b.2CO.012.013 Kuba yintoni na enasilela ngayo kwamanye amabandla kaThixo, ingekukuba mna ngokwam ndingabanga mthwalo kuni? Ndixoleleni oko kungalungisi.

12:14b.2CO.012.014 Yabonani, sendilungele ukuza kuni okwesithathu; ndaye ndingayi kuba mthwalo kuni; kuba andifuni zinto zenu, ndifuna nina. Kuba asingabantwana abafanele ukuqwebela abazali, ngabazali abafanele ukuqwebela abantwana.

12:15b.2CO.012.015 Mna ke, kuya kuba mnandi kakhulu ukuba ndichithe, ndidleke kuphele, ngenxa yemiphefumlo yenu; nakuba okukhona ndinithandayo kakhulu, kokukhona ndithandwa kancinane.

12:16b.2CO.012.016 Kungade kube kunjalo, mna kambe andibanga mthwalo kuni; mandibe, ndinobuqhetseba nje, ndisuke ndanibambisa ngenkohliso.

12:17b.2CO.012.017 Kukho mntu na ke kwabo ndabathumayo kuni, endanidlayo ngaye?

12:18b.2CO.012.018 Ndamyala uTito, ndathuma umzalwana lowo kunye naye. Wanidla na ke uTito? Asihambanga moyeni mnye, yini na? Asihambanga mkhondo mnye, yini na?

12:19b.2CO.012.019 Niyawaseniba siyaziphendulela kusini na kuni? Sithetha phambi kukaThixo, sikuKristu; sizithetha zonke ke izinto ezo, zintanda, ngenxa yokwakheka kwenu.

12:20b.2CO.012.020 Kuba ndiyoyika, hleze ndithi ndakufika, ndinifumane ningenjengendikuthandayo, nam ndifunyanwe nini ndingenjengenikuthandayo; hleze kubekho iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iintlebendwane, iintsebezo, iinkukhumalo, iziphithiphithi;

12:21b.2CO.012.021 hleze ndithi, ndakufika kunjalo, andithobe uThixo wam phakathi kwenu, ndize ndikhedame ngenxa yabaninzi ababesebonile, abaguquka ekungcoleni, nasembulweni, naseburheletyweni ababenzayo.

13

13:1b.2CO.013.001 Oku kokwesithathu ndisiza kuni. Onke amazwi aya kumiswa ngomlomo wamangqina amabini, nokuba mathathu.

13:2b.2CO.013.002 Sendixele kade, ndixela ngenxa engaphambili, njengoko ndandikho okwesibini, nanjengoku ndingekhoyo ngoku, ndibaxelela abo bone kade, nabanye bonke, okokuba xa ndithe ndabuya ndafika, andiyi kubaconga;

13:3b.2CO.013.003 ekubeni nifuna isiganeko sokuthetha kukaKristu phakathi kwam, ongaswele amandla ngokusingisele kuni, onamandla phakathi kwenu.

13:4b.2CO.013.004 Kuba, nakuba wabethelelwayo emnqamlezweni ngokwasekusweleni amandla, udla ubomi ngokwasemandleni kaThixo. Kuba nathi siswele amandla kuye, noko siya kudla ubomi naye ngokwasemandleni kaThixo, ngokubhekisele kuni.

13:5b.2CO.013.005 Zilingeni, ukuba niselukholweni olu na; zicikideni ngokwenu. Okanye anizazi na ukuba uYesu Kristu ungaphakathi kwenu? ukuba okunene aningabo abo bangenakucikideka.

13:6b.2CO.013.006 Ndiyathemba ke ukuba niyakwazi, ukuba asingabo abo bangenakucikideka thina.

13:7b.2CO.013.007 Ndithandaza ke kuye uThixo, ukuba ningenzi nanye into embi; kungekuko ukuze sibonakale sicikidekile thina, ikukuze nenze into entle nina, ke thina sibe njengabangenakucikideka.

13:8b.2CO.013.008 Kuba asinakwenza nto ngokuchasa inyaniso; sinokwenzela inyaniso.

13:9b.2CO.013.009 Kuba siyavuya, xa sukuba singenamandla thina, nibe nina ninamandla; sithandazela nokuthandazela oku ke, ukuba nigqibelele ukulunga.

13:10b.2CO.013.010 Ngenxa yoko ndibhala ezi zinto ndingekho, ukuze ndingathi, ndakuba ndikho, ndenze kabukhali ngokwegunya, endalinikwa yiNkosi ukuba libe lelokwakha, lingabi lelokuchitha.

13:11b.2CO.013.011 Elokugqiba, bazalwana, ndithi, Vuyani, zilungiseni nigqibelele, thuthuzelekani, cingani nto-nye, zolani; wothi ke uThixo wothando noxolo abe nani.

13:12b.2CO.013.012 Bulisanani ngolwango olungcwele.

13:13b.2CO.013.013 Bayanibulisa bonke abangcwele aba.

13:14b.2CO.013.014 Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, nothando lukaThixo, nodlelano loMoya oyiNgcwele, malube nani nonke. Amen.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. 2 Corinthians (Xhosa). 2 Corinthians (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C400-A