John (Xhosa)

John (Xhosa)

1

1:1b.JOH.001.001 Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo.

1:2b.JOH.001.002 Yena lowo ebekho ekuqalekeni kuThixo.

1:3b.JOH.001.003 Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho.

1:4b.JOH.001.004 Kuye kwakukho ubomi, baye ubomi obo bulukhanyiselo lwabantu.

1:5b.JOH.001.005 Ukhanyiso ke olo lwabonakala ebumnyameni, basuka ubumnyama abaluqiqa.

1:6b.JOH.001.006 Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane.

1:7b.JOH.001.007 Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye.

1:8b.JOH.001.008 Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso.

1:9b.JOH.001.009 Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini.

1:10b.JOH.001.010 Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga.

1:11b.JOH.001.011 Weza kokwakhe, baza abakhe abamvuma.

1:12b.JOH.001.012 Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe;

1:13b.JOH.001.013 abangazalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo.

1:14b.JOH.001.014 ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.

1:15b.JOH.001.015 Uthi uYohane angqine ngaye, adanduluke esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum.

1:16b.JOH.001.016 Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo.

1:17b.JOH.001.017 Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu.

1:18b.JOH.001.018 Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko.

1:19b.JOH.001.019 Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi, bephuma eYerusalem, ukuze bambuze besithi, Wena ungubani na?

1:20b.JOH.001.020 Wavuma akakhanyela, wavuma esithi, Andinguye mna uKristu.

1:21b.JOH.001.021 Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Athi, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi ukuphendula, Hayi.

1:22b.JOH.001.022 Bathi ngoko kuye, Ungubani na ke? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Uthini na wena ngawe ngokwakho?

1:23b.JOH.001.023 Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti.

1:24b.JOH.001.024 Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi.

1:25b.JOH.001.025 Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu, noEliya, nomprofeti lowo?

1:26b.JOH.001.026 Wabaphendula uYohane, esithi, Mna ndibhaptiza ngamanzi; ke phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina.

1:27b.JOH.001.027 Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe.

1:28b.JOH.001.028 Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.

1:29b.JOH.001.029 Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi.

1:30b.JOH.001.030 Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi, kwam; ngokuba yayitanci kum.

1:31b.JOH.001.031 Bendingayazi nam; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli.

1:32b.JOH.001.032 Wangqina uYohane, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe.

1:33b.JOH.001.033 Bendingamazi nam; owandithumayo ukubhaptiza ngamanzi, nguye owathi kum, Othe wambona uMoya esihla ahlale phezu kwakhe, nguye lowo ubhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.

1:34b.JOH.001.034 Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo.

1:35b.JOH.001.035 Ngengomso ubuye wema uYohane nababini kubafundi bakhe;

1:36b.JOH.001.036 ondele kuYesu ehamba, uthi, Nantso iMvana kaThixo.

1:37b.JOH.001.037 Bamva ethetha abafundi ababini, bamlandela uYesu.

1:38b.JOH.001.038 Ke kaloku ujikile uYesu, ababone belandela, athi kubo, Nifuna ntoni na? Bathi ke bona kuye, Rabhi (oko kukuthi ngentetho evakalayo, mfundisi), uhlala phi na?

1:39b.JOH.001.039 Athi kubo, Yizani nibone. Beza, babona ke apho ahlala khona; bahlala naye loo mini; laye ke ilixa lingathi leleshumi.

1:40b.JOH.001.040 YayinguAndreya, umzalwana kaSimon Petros, omnye wabo babini, babeve kuYohane, bamlandela.

1:41b.JOH.001.041 Yena ufumana kuqala owakhe umzalwana, uSimon, athi kuye, Simfumene uMesiya (oko kukuthi ngentetho evakalayo, uKristu).

1:42b.JOH.001.042 Wamsa kuYesu; uthe ke uYesu wondela kuye, wathi, Wena unguSimon, unyana kaYona; kuya kuthiwa unguKefas (oko kukuthi ngentetho evakalayo, unguPetros).

1:43b.JOH.001.043 Ngengomso uYesu wafuna ukuphuma aye kwelaseGalili; ufumana uFilipu, athi kuye, Ndilandele.

1:44b.JOH.001.044 Ke kaloku uFilipu ebengowaseBhetesayida, womzi wakuloAndreya noPetros.

1:45b.JOH.001.045 UFilipu ufumana uNataniyeli, athi kuye, Lowo uMoses wabhala ngaye emthethweni, kwanabaprofeti, simfumene, uYesu unyana kaYosefu, lowo waseNazarete.

1:46b.JOH.001.046 Wathi uNataniyeli kuye, Inako na into elungileyo ukuphuma eNazarete? Athi uFilipu kuye, Yiza ubone.

1:47b.JOH.001.047 UYesu wambona uNataniyeli esiza kuye, athi ngaye, Nanko umSirayeli inyaniso, ekungekho nkohliso kuye.

1:48b.JOH.001.048 Athi uNataniyeli kuye, Undazi ngani na? Waphendula uYesu wathi kuye, Phambi kokuba uFilipu akubize, uphantsi komkhiwane, ndandikubona.

1:49b.JOH.001.049 Aphendule uNataniyeli athi kuye, Rabhi, wena unguye uNyana kaThixo, wena unguye uKumkani kaSirayeli.

1:50b.JOH.001.050 Waphendula uYesu wathi kuye, Ngokuba ndithe kuwe, Ndandikubona uphantsi komkhiwane, uyakholwa na? Uya kubona izinto ezingaphezulu kwezo.

1:51b.JOH.001.051 Athi kuye, Inene, inene, ndithi kuni, Emveni koku niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu koNyana woMntu.

2

2:1b.JOH.002.001 Kuthe ngomhla wesithathu, kwabakho umsitho eKana yelaseGalili; waye unina kaYesu ekhona.

2:2b.JOH.002.002 Wamenyelwa ke noYesu kwanabafundi bakhe emsithweni lowo.

2:3b.JOH.002.003 Kuthe ke, bakuphelelwa yiwayini, wathi unina kaYesu kuye, Abanawayini.

2:4b.JOH.002.004 Uthi uYesu kuye, Yintoni na enam nawe, mfazi? Alikafiki ilixa lam.

2:5b.JOH.002.005 Athi unina kubalungiseleli, Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni.

2:6b.JOH.002.006 Kwakumi khona ke imiphanda yamatye imithandathu, ngokwentlambululo yamaYuda, engena ngaminye iibhate ezimbini nantathu.

2:7b.JOH.002.007 Athi kubo uYesu, Yizaliseni imiphanda ngamanzi. Bayizalisa ke, yada yee cike.

2:8b.JOH.002.008 Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Besa ke.

2:9b.JOH.002.009 Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni.

2:10b.JOH.002.010 Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku.

2:11b.JOH.002.011 Oku kuqaleka kwemiqondiso wakwenza uYesu eKana yelaseGalili, walubonakalalisa Uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe.

2:12b.JOH.002.012 Emveni koko wehla waya eKapernahum, yena nonina, nabazalwana bakhe, nabafundi bakhe; bahlala khona iintsuku ezingeninzi.

2:13b.JOH.002.013 Yayikufuphi ke ipasika yamaYuda; wenyuka uYesu waya eYerusalem.

2:14b.JOH.002.014 Wabafumana etempileni ababethengisa ngeenkomo nezimvu namahobe, nabananisa ngemali behleli.

2:15b.JOH.002.015 Wenza iziniya ngemizi, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile;

2:16b.JOH.002.016 wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.

2:17b.JOH.002.017 Bakhumbula ke abafundi bakhe, ukuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuzondelela indlu yakho kundidlile kanye.

2:18b.JOH.002.018 Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Usibonisa mqondiso mni na, uzenza nje ezi zinto?

2:19b.JOH.002.019 Waphendula uYesu wathi kubo, Yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.

2:20b.JOH.002.020 Athi ke ngoko amaYuda, Yayiminyaka imashumi mane anesithandathu nje isakhiwa le tempile, ke wena woyivusa ngeentsuku ezintathu na?

2:21b.JOH.002.021 Yena ke wayethetha ngetempile yomzimba wakhe.

2:22b.JOH.002.022 Ke ngoko, xenikweni wavukayo kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe, ukuba ebekuthethile oku kubo, bakholwa sisibhalo nalilizwi awalithethayo uYesu.

2:23b.JOH.002.023 Ke kaloku, akubon’ ukuba useYerusalem epasikeni, emthendelekweni, into eninzi yakholwa kulo igama lakhe, ibona imiqondiso yakhe abeyenza.

2:24b.JOH.002.024 Ke yena uYesu akaziyekelanga kubo, ngenxa yokuba ebazi bonke;

2:25b.JOH.002.025 nangokuba bekungafuneki kuye, ukuba kungqine bani ngaye umntu, kuba ubekwazi yena okungaphakathi komntu.

3

3:1b.JOH.003.001 Kwaye kukho ke umntu wakubaFarisi, ogama linguNikodemo, umphathi wamaYuda.

3:2b.JOH.003.002 Lowo weza kuYesu ebusuku, wathi kuye, Rabhi, siyazi ukuba ungumfundisi ovela kuThixo; kuba akukho namnye unako ukuyenza le miqondiso uyenzayo wena, ukuba uThixo akanaye.

3:3b.JOH.003.003 Waphendula uYesu wathi kuye, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo.

3:4b.JOH.003.004 Uthi uNikodemo kuye, Angathini na umntu ukuzalwa emdala? Angaba nako yini na ukungena okwesibini esizalweni sonina azalwe?

3:5b.JOH.003.005 Waphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo.

3:6b.JOH.003.006 Okuzelwe yinyama kuyinyama, nokuzelwe nguMoya kungumoya.

3:7b.JOH.003.007 Musa ukumangaliswa kukuba ndithe kuwe, Nimelwe kukuthi nizalwe ngokutsha.

3:8b.JOH.003.008 Umoya uphepheza apho uthanda khona, uze usive isandi sawo, kodwa ungawazi apho uvela khona, nalapho usinga khona: bakwanjalo bonke abazelwe nguMoya.

3:9b.JOH.003.009 Waphendula uNikodemo wathi kuye, Zingathini na ezi zinto ukuba nokubakho?

3:10b.JOH.003.010 Waphendula uYesu wathi kuye, Wena, ungumfundisi nje wakwaSirayeli, akuzazi na ezi zinto?

3:11b.JOH.003.011 Inene, inene, ndithi kuwe, Sithetha esikwaziyo, singqine esikubonileyo; nisuke ningabamkeli ubungqina bethu.

3:12b.JOH.003.012 Ukuba ndinixelele izinto ezisemhlabeni, naza anakholwa, nothini na ukukholwa, ukuba ndithe ndanixelela izinto ezisemazulwini?

3:13b.JOH.003.013 Akukho namnye unyukileyo waya emazulwini, ngulowo yedwa wehla ephuma emazulwini, uNyana woMntu, lowo usemazulwini.

3:14b.JOH.003.014 Njengokuba ke uMoses wayiphakamisayo inyoka entlango, umelwe kukuphakanyiswa ngokunjalo uNyana woMntu;

3:15b.JOH.003.015 ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.

3:16b.JOH.003.016 Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.

3:17b.JOH.003.017 Kuba uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini, ukuze aligwebe ihlabathi; wamthuma ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye.

3:18b.JOH.003.018 Lowo ukholwayo kuye, akagwetywa; ke lowo ungakholwayo, uselegwetyiwe, ngokuba engakholwanga kwigana loNyana okuphela kwamzeleyo uThixo.

3:19b.JOH.003.019 Ke kaloku, umgwebo nguwo lo, ukuba ukhanyiso lufikile ehlabathini, baza abantu bathanda ubumnyama ngaphezu kokhanyiso; kuba imisebenzi yabo ingendawo.

3:20b.JOH.003.020 Kuba bonke abenza okubi, bayaluthiya ukhanyiso, bangezi elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yabo ingohlwaywa.

3:21b.JOH.003.021 Ke lowo uyenzayo inyaniso uyeza elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yakhe ibonakalaliswe; ngokuba isetyenzelwe kuThixo.

3:22b.JOH.003.022 Emveni kwezi zinto, weza uYesu nabafundi bakhe emhlabeni wakwaYuda; wakha walibala khona apho nabo; wabhaptiza.

3:23b.JOH.003.023 Waye ke noYohane ebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, ngokuba amanzi abemaninzi khona apho; babesiza ke babhaptizwe.

3:24b.JOH.003.024 Kuba ebengekaphoswa entolongweni uYohane.

3:25b.JOH.003.025 Kwabakho ke imbuzwano kubafundi bakaYohane namaYuda ngokuhlanjululwa.

3:26b.JOH.003.026 Beza kuYohane, bathi kuye, Rabhi, lowa wayenawe phesheya kweYordan, umngqinela, yabona, yena uyabhaptiza; beza kuye ke bonke.

3:27b.JOH.003.027 Waphendula uYohane wathi, Akanakwamkela nto umntu, engayinikwanga ivela emazulwini.

3:28b.JOH.003.028 Nani ngokwenu niyandingqinela ukuba ndathi, Andinguye uKristu mna; ndathi, Ndithunyiwe phambi kwakhe.

3:29b.JOH.003.029 Lowo unomtshakazi ngumyeni; isihlobo ke somyeni, esimiyo simve, sivuya kunene ngenxa yezwi lomyeni; ngoko olu luvuyo lwam luzalisekile.

3:30b.JOH.003.030 Yena umelwe kukuthi ande, ndinciphe ke mna.

3:31b.JOH.003.031 Lowo uvela phezulu ungaphezu kwabo bonke; lowo uphuma emhlabeni ungowasemhlabeni, ethetha okwasemhlabeni. Lowo ungowasemazulwini ungaphezu kwabo bonke;

3:32b.JOH.003.032 akubonileyo ke wakuva, uyakungqina oko; akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe.

3:33b.JOH.003.033 Lowo ubamkeleyo ubungqina bakhe, utywine waqinisela ukuthi, uThixo uyinyaniso;

3:34b.JOH.003.034 kuba lowo uthunywe nguThixo, uthetha amazwi kaThixo; kuba uThixo akamniki uMoya ngomlinganiselo.

3:35b.JOH.003.035 UYise uyamthanda uNyana; uzinikele zonke izinto esandleni sakhe.

3:36b.JOH.003.036 Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.

4

4:1b.JOH.004.001 Ithe ngoko iNkosi, yakwazi ukuba abaFarisi bavile ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ngokwenza nokubhaptiza abafundi

4:2b.JOH.004.002 (nakubeni ke uYesu ngokwakhe ebengabhaptizi, bekubhaptiza abafundi bakhe),

4:3b.JOH.004.003 yalishiya yona elakwaYuda, yabuya yaya kwelaseGalili.

4:4b.JOH.004.004 Ibimelwe ke kukuthi icande kwela maSamariya.

4:5b.JOH.004.005 Ifike ke emzini welamaSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nomhlaba awathi uYakobi wawunika uYosefu unyana wakhe.

4:6b.JOH.004.006 Ke kaloku umthombo kaYakobi ubukhona. Uthe ke ngoko uYesu, ebulalekile kukuhamba, wahlala enjalo phezu komthombo; ilixa ngathi belilelesithandathu.

4:7b.JOH.004.007 Kufika intokazi yelamaSamariya, isiza kukha amanzi, athi uYesu kuyo, Ndiphe ndisele.

4:8b.JOH.004.008 (Kuba abafundi bakhe bebemke baya kuthenga ukudla emzini apho.)

4:9b.JOH.004.009 Ithi ngoko intokazi engumSamariyakazi kuye, Uthini na wena, ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje? Kuba akanabudlelane amaYuda namaSamariya.

4:10b.JOH.004.010 Waphendula uYesu wathi kuyo, Ukuba ubusazi isipho sikaThixo, nokuba ngubani na lo uthi kuwe, Ndiphe ndisele: unge ucele kuye wena, wakupha amanzi aphilileyo.

4:11b.JOH.004.011 Ithi intokazi kuye, Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; uwazuza phi na ke amanzi aphilileyo lawo?

4:12b.JOH.004.012 Wena umkhulu yini na kunobawo wethu uYakobi, owasinikayo iqula eli, wayesela kulo yena, nabantwana bakhe, nemfuyo yakhe?

4:13b.JOH.004.013 Waphendula uYesu wathi kuyo, Bonke abasela kula manzi, baya kubuya banxanwe;

4:14b.JOH.004.014 ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.

4:15b.JOH.004.015 Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiphe loo manzi, ukuze ndinganxanwa, ndingezi nokuza kukha apha.

4:16b.JOH.004.016 Athi uYesu kuyo, Hamba uye kubiza indoda yakho, uze apha.

4:17b.JOH.004.017 Yaphendula intokazi yathi, Andinandoda. Athi uYesu kuyo, Ulungisile ukuthi, Andinandoda;

4:18b.JOH.004.018 kuba ubunamadoda amahlanu; onayo ngoku asindoda yakho, unyanisile ukutsho.

4:19b.JOH.004.019 Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiyabona ukuba ungumprofeti wena.

4:20b.JOH.004.020 Oobawo bethu babenqula kule ntaba; nina ke nithi iseYerusalem indawo apho abantu bamelwe kukunqula khona.

4:21b.JOH.004.021 Athi uYesu kuyo, Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo.

4:22b.JOH.004.022 Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo; ngokuba usindiso luphuma kumaYuda.

4:23b.JOH.004.023 Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.

4:24b.JOH.004.024 UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.

4:25b.JOH.004.025 Ithi intokazi kuye, Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, ekuthiwa nguKristu; xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke.

4:26b.JOH.004.026 Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye.

4:27b.JOH.004.027 Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi. Ufuna ntoni na? nowathi, Yini na ukuba uthethe nayo?

4:28b.JOH.004.028 Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya; ithi ebantwini,

4:29b.JOH.004.029 Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu yini na?

4:30b.JOH.004.030 Baphuma ke ekhaya, baye besiza kuye.

4:31b.JOH.004.031 Ke kaloku, kweso sithuba abafundi babemthandaza, besithi, Rabhi, yidla.

4:32b.JOH.004.032 Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina.

4:33b.JOH.004.033 Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla?

4:34b.JOH.004.034 Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe.

4:35b.JOH.004.035 Anitsho na nina ukuthi, Iinyanga zisene, kuze kufike ukuvuna? Yabonani, ndithi kuni, Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe.

4:36b.JOH.004.036 Novunayo wamkela umvuzo, abuthele iziqhamo ebomini obungunaphakade, ukuze nalowo uhlwayelayo avuye, kunye nalowo uvunayo.

4:37b.JOH.004.037 Kuba likule nto ilizwi eliyinyaniso, eli lithi, Omnye uyahlwayela, nomnye avune.

4:38b.JOH.004.038 Mna ndanithuma ukuvuna oko ningabulalekanga kuko nina; abanye babulalekile, naza nangena nina ekubulalekeni kwabo.

4:39b.JOH.004.039 Ke kaloku, kwakholwa kuye into eninzi yamaSamariya kuloo mzi, ngenxa yelizwi lentokazi leyo, yangqinayo yathi, Undityele izinto zonke endakha ndazenza.

4:40b.JOH.004.040 Akufika ngoko kuye amaSamariya, amcela ukuba ahlale nawo; wahlala khona ke imihla emibini.

4:41b.JOH.004.041 Into eninzi yakholwa ngakumbi ngenxa yelizwi lakhe.

4:42b.JOH.004.042 Kanjalo babesithi kwintokazi leyo, Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho, kuba sizivele thina ngokwethu, sazi ukuba, inyaniso, lo unguye uMsindisi wehlabathi, uKristu.

4:43b.JOH.004.043 Ke kaloku, emveni kwemihla emibini leyo, waphuma khona, wemka waya kwelaseGalili.

4:44b.JOH.004.044 Kuba uYesu ngokwakhe wangqina, ukuba umprofeti akanambeko kowabo.

4:45b.JOH.004.045 Xenikweni ngoko wafikayo kwelaseGalili, bamamkela abaseGalili ababezibonile zonke izinto awazenzayo eYerusalem emthendelekweni; kuba babeyile nabo emthendelekweni.

4:46b.JOH.004.046 Wabuya ngoko weza uYesu eKana yelaseGalili, apho amanzi ebewenze iwayini. Kwaye kukho igosa lakomkhulu elithile, elinyana wayesifa eKapernahum.

4:47b.JOH.004.047 Lithe lakuva lona ukuba uYesu uphumile kwaYuda, wafika kwelaseGalili, laya kuye, lamcela ukuba ehle amphilise unyana walo, kuba ebeza kubhubha.

4:48b.JOH.004.048 Wathi ngoko uYesu kulo, Ukuba anithanga nibone imiqondiso nemimangaliso, anisayi kukha nikholwe.

4:49b.JOH.004.049 Lithi kuye igosa lakomkhulu, Nkosi, yihla, engekabhubhi umntwana wam.

4:50b.JOH.004.050 Athi uYesu kulo, Hamba uhambe; unyana wakho uhleli. Wakholwa umntu lowo lilizwi awalithethayo uYesu kuye, wahamba ke.

4:51b.JOH.004.051 Ke kaloku, akubon’ ukuba uselesihla, izicaka zakhe zamhlangabeza, zambikela zisithi, Umntwana wakho uhleli.

4:52b.JOH.004.052 Wabuza ngoko kuzo ilixa aqale ukuchacha ngalo; zathi kuye, Izolo, ngelixa lesixhenxe, yamyeka icesina.

4:53b.JOH.004.053 Wazi ngoko uyise, ukuba bekukwangelo lixa abethe ngalo uYesu kuye, Unyana wakho uhleli; wakholwa, yena nendlu yakhe iphela.

4:54b.JOH.004.054 Lo mqondiso ke wesibini wawenza uYesu, eselephumile kwelakwaYuda, weza kwelaseGalili.

5

5:1b.JOH.005.001 Emveni kwezi zinto, kwaye kukho umthendeleko wamaYuda, wenyuka uYesu waya eYerusalem.

5:2b.JOH.005.002 Ke kaloku kukho eYerusalem apho, ngakwelezimvu isango, ichibi, ekuthiwa ukubizwa yiBhetesda ngesiHebhere, lineevaranda ezintlanu.

5:3b.JOH.005.003 Kwakulele kuzo inkitha eninzi yemilwelwe: iimfama, iziqhwala, abome umzimba, belinde ukuzanyazanyiswa kwamanzi.

5:4b.JOH.005.004 Kuba isithunywa sezulu ngaxesha lithile besisihla, singene echibini, siwagxobhagxobhe amanzi; lowo ngoko ubethe angene tanci emva kokugxojwagxojwa kwamanzi, ubephila nakusiphi na isifo abebanjwe siso.

5:5b.JOH.005.005 Ke kaloku, bekukho mntu uthile apho, ubeminyaka imashumi mathathu anesibhozo engumlwelwe.

5:6b.JOH.005.006 UYesu embona lowo elele, esazi ukuba uselenexesha elikhulu enjalo, uthi kuye, Uyafuna na ukuba uphile?

5:7b.JOH.005.007 Waphendula umlwelwe wathi, Nkosi, andinamntu wokuthi, xa athe agxojwagxojwa amanzi, andiphose echibini. Kuthi ke, ndakubon’ ukuba mna ndiyaya, ndiphangelwe ngomnye ukuhla.

5:8b.JOH.005.008 Athi uYesu kuye, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe.

5:9b.JOH.005.009 Usuke kwaoko waphila umntu, waluthabatha ukhuko lwakhe, wahamba. Ke kaloku kwakuyisabatha loo mini.

5:10b.JOH.005.010 Ayesithi ke amaYuda kophilisiweyo, Yisabatha; akuvumelekile ukuba uthwale ukhuko lwakho.

5:11b.JOH.005.011 Wawaphendula wathi, Owandiphilisayo, nguye owathi kum, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe.

5:12b.JOH.005.012 Ambuza ngoko athi, Ngubani na yena loo mntu uthe kuwe, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe?

5:13b.JOH.005.013 Ke kaloku, owaphiliswayo ebengazi ukuba ngubani na; kuba uYesu wathi shwaka, kwakubon’ ukuba kukho izihlwele kuloo ndawo.

5:14b.JOH.005.014 Emveni kwezi zinto, uYesu umfumana etempileni, athi kuye, Uyabona, uphilile; musa ukuba sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kunaleyo.

5:15b.JOH.005.015 Wemka umntu lowo, waxela kumaYuda, ukuba nguYesu omenze waphila.

5:16b.JOH.005.016 Ngenxa yoko ayemtshutshisa uYesu amaYuda, afuna ukumbulala; ngokuba wayesenza ezo zinto ngesabatha.

5:17b.JOH.005.017 Wawaphendula ke uYesu wathi, UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza.

5:18b.JOH.005.018 Ngenxa yoko ke ayefuna ngakumbi amaYuda ukumbulala; ngokuba ubengaphule sabatha yodwa, wayetshilo nokuthi, uThixo ngowakhe uYise, ezenza alingane noThixo.

5:19b.JOH.005.019 Waphendula ngoko uYesu, wathi kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, UNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, ezo uyazenza uNyana kwangokunjalo;

5:20b.JOH.005.020 kuba uYise uyamthanda uNyana, ambonise izinto zonke azenzayo yena; uya kumbonisa nemisebenzi emikhulu kunale, ukuze nina nimangaliswe.

5:21b.JOH.005.021 Kuba, njengoko uYise abavusayo abafileyo, abadlise ubomi, kwangokunjalo noNyana ubadlisa ubomi abo athandayo.

5:22b.JOH.005.022 Kuba kananjalo uYise akagwebi namnye; uthe umgwebo wonke wawunikela kuNyana;

5:23b.JOH.005.023 ukuze bonke bambeke uNyana, kwanjengoko bambekayo uYise. Lowo ungambekiyo uNyana, akambeki uYise owamthumayo.

5:24b.JOH.005.024 Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade; akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni, wangena ebomini.

5:25b.JOH.005.025 Inene, inene, ndithi kuni, Kuza ilixa, nangoku liselikho, xa abafileyo baya kuliva izwi loNyana kaThixo, bathi abalivileyo badle ubomi.

5:26b.JOH.005.026 Kuba njengokuba uYise enabo ubomi kuye ngokwakhe, ngokunjalo wamnika noNyana ukuba abe nobomi kuye ngokwakhe.

5:27b.JOH.005.027 Wamnika negunya lokugweba; ngokuba enguNyana woMntu.

5:28b.JOH.005.028 Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe;

5:29b.JOH.005.029 baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.

5:30b.JOH.005.030 Mna ngokwam andinakwenza nto; njengoko ndivayo, ndigweba ngako, nomgwebo wam ububulungisa; ngokuba andifuni kuthanda kwam, ndifuna ukuthanda kukaBawo owandithumayo.

5:31b.JOH.005.031 Ukuba mna ndisuka ndizingqinele, ubungqina bam abungebi yiyo inene.

5:32b.JOH.005.032 Kukho omnye ongqinayo ngam; ndiyazi ke, ukuba buyinene ubungqina abungqinayo ngam.

5:33b.JOH.005.033 Nina nithumele kuYohane; uyingqinele ke inyaniso.

5:34b.JOH.005.034 Mna ke andamkeli bungqina mntwini; ndizithetha ezi zinto, ukuze nina nisindiswe.

5:35b.JOH.005.035 Yena lowo ebesiso isibane esivuthayo, esikhanyayo; ke nina nathanda ukugcoba umzuzwana elukhanyweni lwakhe.

5:36b.JOH.005.036 Mna ke ndinabo ubungqina obungaphezu kobukaYohane; kuba imisebenzi awandinikayo uBawo ukuba ndiyifeze, yona le misebenzi ndiyenzayo mna, iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile.

5:37b.JOH.005.037 NoBawo owandithumayo, yena ungqinile ngam. Anizanga nilive izwi lakhe nakanye, niyibone nembonakalo yakhe.

5:38b.JOH.005.038 Nezwi lakhe aninalo lihleli, kuni; ngokuba lowo uthunywe nguye, ningakholwa nguye nina.

5:39b.JOH.005.039 Ziphengululeni izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam.

5:40b.JOH.005.040 Nibe ke nina ningathandi ukuza kum, ukuze nibe nobomi.

5:41b.JOH.005.041 Andamkeli luzuko bantwini.

5:42b.JOH.005.042 Ndiyanazi nina, ukuba uthando lukaThixo aninalo ngaphakathi kwenu.

5:43b.JOH.005.043 Mna ndize egameni likaBawo, anindamkeli; ukuba omnye uthe weza ngelilelakhe igama, nomamkela yena.

5:44b.JOH.005.044 Ningathini na ukuba nako ukukholwa, nisamkelela uzuko omnye komnye nje nina, nibe uzuko lona oluvela kuThixo yedwa ningalufuni?

5:45b.JOH.005.045 Ningabi ndiya kunimangalela kuBawo mna; ukho onimangalelayo, uMoses, lowo nimthembileyo nina.

5:46b.JOH.005.046 Kuba, ukuba benikholiwe nguMoses, ninge nikholiwe ndim; kuba yena wabhala ngam.

5:47b.JOH.005.047 Ke ukuba anikholwa zizibhalo zakhe yena, ningathini na ukukholwa ngawam amazwi?

6

6:1b.JOH.006.001 Emveni kwezi zinto, wemka uYesu, waya phesheya kolwandle lwaseGalili, lwaseTibheriya.

6:2b.JOH.006.002 Wayelandelwa ke sisihlwele esikhulu, ngokuba babebona imiqondiso yakhe, abeyenza kwababesifa.

6:3b.JOH.006.003 Ke kaloku, wenyuka uYesu waya entabeni, wahlala phantsi khona nabafundi bakhe.

6:4b.JOH.006.004 Yaye ke ikufuphi ipasika, umthendeleko wamaYuda.

6:5b.JOH.006.005 Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba?

6:6b.JOH.006.006 Ubesitsho ke emlinga; kuba ubeyazi yena into abeza kuyenza.

6:7b.JOH.006.007 UFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana.

6:8b.JOH.006.008 Athi kuye omnye kubafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros,

6:9b.JOH.006.009 Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana?

6:10b.JOH.006.010 Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ngoko amadoda, engathi amawaka mahlanu inani.

6:11b.JOH.006.011 Wazithabatha ke izonka uYesu, wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi babela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo.

6:12b.JOH.006.012 Bakuhlutha ke, uthi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali nto.

6:13b.JOH.006.013 Babutha ngoko, bazalisa izitya zalishumi elinazibini ngamaqhekeza abesele kubo ababedlile, ezonkeni ezihlanu zerhasi.

6:14b.JOH.006.014 Ngoko abantu aba, bakuwubona umqondiso awawenzayo uYesu, bathi, Lo nguye inyaniso umprofeti lowo uzayo ehlabathini.

6:15b.JOH.006.015 Uthe ngoko uYesu, esazi ukuba bahlalele ukuza kumbamba ngamandla, bamenze ukumkani, wabuya wemka, waya entabeni Yena yedwa.

6:16b.JOH.006.016 Ke kaloku, kuthe kwakuhlwa, behla abafundi bakhe, baya elwandle.

6:17b.JOH.006.017 Bengenile ke emkhombeni, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum; kwakusekumnyama, waye uYesu engafikanga kubo.

6:18b.JOH.006.018 Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu.

6:19b.JOH.006.019 Bakuba ngoko begweqile izitadiya ezingathi zimashumi mabini anazihlanu, nokuba mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esiza kubo kufuphi nomkhombe; basuka boyika.

6:20b.JOH.006.020 Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika.

6:21b.JOH.006.021 Babethanda ngoko ukumamkelela emkhombeni; waza kwaoko umkhombe waba semhlabeni lowo babesiya kuwo.

6:22b.JOH.006.022 Ngengomso indimbane leyo, ibimi phesheya kolwandle, yakuba ibonile ukuba akukho mkhonjana wumbi khona, ngulowo mnye wodwa babengene kuwo abafundi bakhe; nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhonjaneni lowo, bemke bodwa abafundi bakhe;

6:23b.JOH.006.023 nokuba kuze eminye imikhonjana ivela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka khona, yakuba ibulele iNkosi:

6:24b.JOH.006.024 xeshikweni ke indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu.

6:25b.JOH.006.025 Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi, ufike nini na apha?

6:26b.JOH.006.026 Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso; nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha.

6:27b.JOH.006.027 Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo.

6:28b.JOH.006.028 Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo?

6:29b.JOH.006.029 Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye.

6:30b.JOH.006.030 Bathi ngoko kuye, Wenza mqondiso mni na wena, ukuze sibone, sikholwe nguwe? Usebenza ntoni na?

6:31b.JOH.006.031 Oobawo bethu bona badla imana entlango, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona.

6:32b.JOH.006.032 Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso.

6:33b.JOH.006.033 Kuba isonka sikaThixo sesi sehlayo ezulwini, silinike ubomi ihlabathi.

6:34b.JOH.006.034 Bathi ke ngoko kuye, Nkosi, sinike eso sonka ngamaxa onke.

6:35b.JOH.006.035 Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade.

6:36b.JOH.006.036 Senditshilo kuni ukuthi, Nindibonile nokundibona, anikholwa noko.

6:37b.JOH.006.037 Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle;

6:38b.JOH.006.038 ngokuba ndihle emazulwini, ndingaze kwenza ukuthanda kwam; ndize kwenza ukuthanda kwalowo wandithumayo.

6:39b.JOH.006.039 Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, kukaBawo: ukuba konke awandinikayo, ndingalahli nento kuko, ndikuvuse ngomhla wokugqibela.

6:40b.JOH.006.040 Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndandiya kubavusa mna ngomhla wokugqibela.

6:41b.JOH.006.041 Ayemkrokrela ngoko amaYuda, ngokuba wathi, Ndim isonka, esi sehlayo emazulwini.

6:42b.JOH.006.042 Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angathini na ke ngoko yena ukuthi, Ndihle emazulwini?

6:43b.JOH.006.043 Waphendula ngoko UYesu wathi kubo, Musani ukukrokra ngaphakathi kwenu.

6:44b.JOH.006.044 Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.

6:45b.JOH.006.045 Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum.

6:46b.JOH.006.046 Kungekuba kukho bani umbonileyo uBawo, ingenguye ovela kuThixo; nguye yedwa ombonileyo uBawo.

6:47b.JOH.006.047 Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade.

6:48b.JOH.006.048 Ndim isonka sobomi.

6:49b.JOH.006.049 Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko.

6:50b.JOH.006.050 Isonka sona esihla emazulwini sesi, athi ubani akusidla, angafi.

6:51b.JOH.006.051 Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.

6:52b.JOH.006.052 Ngoko amaYuda ayesilwa phakathi kwawo, esithi, Angathini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle?

6:53b.JOH.006.053 Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni.

6:54b.JOH.006.054 Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.

6:55b.JOH.006.055 Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso.

6:56b.JOH.006.056 Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye.

6:57b.JOH.006.057 Njengoko uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndiphilile ngenxa enoBawo, lowo undidlayo, kwayena uya kuphila ngam.

6:58b.JOH.006.058 Siso eso isonka esehla emazulwini; kungenjengokuba ooyihlo bayidlayo imana, bafa noko. Lowo usidlayo esi sonka, uya kuphila ngonaphakade.

6:59b.JOH.006.059 Ezi zinto wazithetha endlwini yesikhungu, efundisa eKapernahum.

6:60b.JOH.006.060 Into eninzi ngoko kubafundi bakhe yakuva yathi, Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onako ukuliva?

6:61b.JOH.006.061 Ke kaloku, esazi uYesu ngaphakathi kwakhe, ukuba bayakrokra lilo abafundi bakhe, wathi kubo, Kuyanikhubekisa na oku?

6:62b.JOH.006.062 Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona?

6:63b.JOH.006.063 Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi.

6:64b.JOH.006.064 Kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumnikela.

6:65b.JOH.006.065 Wayesithi, Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo.

6:66b.JOH.006.066 Ngenxa yoko into eninzi yabafundi bakhe yabuya umva, ayaba sahamba naye.

6:67b.JOH.006.067 Wathi ngoko uYesu kwabalishumi elinababini, Nani nifuna ukumka, yini na?

6:68b.JOH.006.068 Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade.

6:69b.JOH.006.069 Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo ophilileyo.

6:70b.JOH.006.070 Wabaphendula uYesu wathi, Andininyulanga na mna, nina shumi linababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi.

6:71b.JOH.006.071 Wayethetha ke ngoYuda Sikariyoti kaSimon, kuba lowo ibinguye obeza kumngcatsha, engomnye weshumi elinababini.

7

7:1b.JOH.007.001 Emveni kwezi zinto, wayehamba uYesu kwelaseGalili; kuba ebengathandi ukuhamba kwelakwaYuda; ngokuba amaYuda ebefuna ukumbulala.

7:2b.JOH.007.002 Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko wamaYuda weminquba.

7:3b.JOH.007.003 Bathi ngoko kuye abazalwana bakhe, Gqitha apha, uye kwelakwaYuda, ukuze nabafundi bakho bayibone imisebenzi yakho oyenzayo.

7:4b.JOH.007.004 Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi.

7:5b.JOH.007.005 Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye.

7:6b.JOH.007.006 Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile.

7:7b.JOH.007.007 Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo.

7:8b.JOH.007.008 Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki.

7:9b.JOH.007.009 Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili.

7:10b.JOH.007.010 Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhleni, kubusithela.

7:11b.JOH.007.011 Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena?

7:12b.JOH.007.012 Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi, yena ulahlekisa uluntu olu.

7:13b.JOH.007.013 Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhleni, ngenxa yokoyika amaYuda.

7:14b.JOH.007.014 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa.

7:15b.JOH.007.015 Ayemangaliswa amaYuda, esithi, Lo uyazi ngani na imfundo, engafundanga nje?

7:16b.JOH.007.016 Waphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo.

7:17b.JOH.007.017 Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na.

7:18b.JOH.007.018 Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye.

7:19b.JOH.007.019 Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; yini na ukuba nifune ukundibulala?

7:20b.JOH.007.020 Saphendula isihlwele sathi, Unedemon; ngubani na ofuna ukukubulala?

7:21b.JOH.007.021 Wapendula uYesu wathi kubo. Ndenze umsebenzi wamnye, namangaliswa ke nonke.

7:22b.JOH.007.022 UMoses uninike ulwaluko ngenxa yoku, kungengenxa yokuba luphume kuMoses, kungenxa yokuba luphume kooyihlo. Niyamalusa ke umntu nangesabatha.

7:23b.JOH.007.023 Ukuba umntu uyaluswa ngesabatha, ukuze ungaphulwa umthetho kaMoses, nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha?

7:24b.JOH.007.024 Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo.

7:25b.JOH.007.025 Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala?

7:26b.JOH.007.026 Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangaba kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu okwenyaniso?

7:27b.JOH.007.027 Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona.

7:28b.JOH.007.028 Wadanduluka ke ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina.

7:29b.JOH.007.029 Mna ke ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile.

7:30b.JOH.007.030 Babefuna ngoko ukumbamba; kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki.

7:31b.JOH.007.031 Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye; yayisithi, UKristu, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo?

7:32b.JOH.007.032 AbaFarisi beva abantu bezikrokrela ezi zinto ngaye; baza abaFarisi nababingeleli abakhulu bathuma amadindala, ukuba ambambe.

7:33b.JOH.007.033 Wathi ngoko uYesu kuwo, Liselixesha elifutshane endinani, ndize ndiye kowandithumayo.

7:34b.JOH.007.034 Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina.

7:35b.JOH.007.035 Athi ngoko amaYuda phakathi kwawo, Uza kuya phi na lo, le nto singayi kumfumana thina? Angaba uza kuya kwiintsali ezikumaGrike, afundise amaGrike, yini na?

7:36b.JOH.007.036 Liyintoni na eli lizwi alithethileyo, lithi, Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina?

7:37b.JOH.007.037 Ke kaloku, ngomhla wokugqibela, ongowona mkhulu womthendeleko, wema uYesu, wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele.

7:38b.JOH.007.038 Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe.

7:39b.JOH.007.039 Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye; kuba ebengekamkelwa uMoya oyiNgcwele; ngokuba uYesu ebengekazukiswa.

7:40b.JOH.007.040 Yaye ngoko into eninzi esihlweleni, yakuliva ilizwi elo, isithi, Lo nguye umprofeti, inyaniso. Babesithi abanye, Lo nguye uKristu.

7:41b.JOH.007.041 Babesithi abanye, uKristu angavela kwelaseGalili yini na?

7:42b.JOH.007.042 Asitshongo na isibhalo ukuthi, uKristu uphuma embewini kaDavide, naseBhetelehem, umzana abekuwo uDavide?

7:43b.JOH.007.043 Ke ngoko sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe.

7:44b.JOH.007.044 Inxenye ke kubo yayithanda ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa izandla.

7:45b.JOH.007.045 Afika ngoko amadindala kubabingeleli abakhulu nakubaFarisi; baza bona bathi kuwo, Kungani na ukuba ningezi naye?

7:46b.JOH.007.046 Aphendula amadindala athi, Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu.

7:47b.JOH.007.047 Bawaphendula ngoko abaFarisi, bathi, Ningaba nilahlekisiwe nani na?

7:48b.JOH.007.048 Kubaphathi nakubaFarisi kungaba kukho mntu ukholiweyo kuye yini na?

7:49b.JOH.007.049 Olu luntu lungawaziyo umthetho luqalekisiwe.

7:50b.JOH.007.050 Uthe uNikodemo kubo (lowo wezayo kuye ebusuku, engomnye kwabo),

7:51b.JOH.007.051 Umthetho wethu uyamgweba yini na umntu, ukuba awuthanga uve kuye kuqala, uqonde into ayenzayo?

7:52b.JOH.007.052 Baphendula bathi kuye, Ungaba ungowelaseGalili nawe na? Phengulula ubone, ukuba akuveli mprofeti kwelaseGalili.

7:53b.JOH.007.053 Walowo ke waya kweyakhe indlu.

8

8:1b.JOH.008.001 UYesu ke yena waya eNtabeni yemiNquma.

8:2b.JOH.008.002 Uthe ke ngesifingo wabuya wafika etempileni; baye bonke abantu besiza kuye; wahlala phantsi, wabafundisa.

8:3b.JOH.008.003 Ababhali nabaFarisi bazisa ke kuye umfazi obanjwe ekrexeza; baza, bemmise phakathi,

8:4b.JOH.008.004 bathi kuye, Mfundisi, lo mfazi wabanjwa ekrexeza, kanye kuloo ntlondi.

8:5b.JOH.008.005 Ke kaloku, emthethweni uMoses wasimisela ukuthi, abanjalo mabagityiselwe ngamatye; uthini na ke wena?

8:6b.JOH.008.006 Babesitsho ke bemhenda, ukuze babe nokummangalela; kodwa uYesu, ethobe phantsi, wabhala ngomnwe emhlabeni.

8:7b.JOH.008.007 Uthe ke bakumana bembuza, waphakama, wathi kubo, Ongenasono kuni makaqale amgibisele ngelitye.

8:8b.JOH.008.008 Wabuya wathoba phantsi, wabhala emhlabeni.

8:9b.JOH.008.009 Bathe ke bona bakuva, besohlwaywa naluvalo lwabo, baphuma ngabanye, beqalela kwabakhulu, kwada kwaba kwabokugqibela. Wasala yedwa uYesu, waye umfazi emi phakathi.

8:10b.JOH.008.010 Ephakamile ke uYesu, akabona mntu kwakuphela ngumfazi lowo; wathi kuye, Mfazindini, baphi na abo bamangaleli bakho? Akukho ukugwebileyo na?

8:11b.JOH.008.011 Wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuye, Nam andikugwebi; hamba, ungabuye wone.

8:12b.JOH.008.012 Wabuya ngoko uYesu wathetha kubo, esithi, Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.

8:13b.JOH.008.013 Bathe ngoko abaFarisi kuye, Wena uyazingqinela, ubungqina bakho abunene.

8:14b.JOH.008.014 Waphendula uYesu wathi kubo, Nokuba ndithi ndizingqinele mna ngokwam, buyinene ubungqina bam; ngokuba ndiyazi apho ndavela khona, nalapho ndiya khona; ke nina anazi apho ndivela khona, nalapho ndiya khona.

8:15b.JOH.008.015 Nina nigweba ngokwenyama; mna andigwebi namnye.

8:16b.JOH.008.016 Nokuba ndithi ndigwebe mna, umgwebo wam uyinene; ngokuba andindedwa, ndim noBawo owandithumayo.

8:17b.JOH.008.017 Nasemthethweni wenu ke kubhaliwe kwathiwa, Ubungqina babantu ababini buyinene.

8:18b.JOH.008.018 Mna ndingulowo uzingqinelayo; uyandingqinela nalowo wandithumayo, uBawo.

8:19b.JOH.008.019 Bathi ngoko kuye, Uphi na uYihlo? Waphendula uYesu, wathi, Anindazi mna; animazi noBawo. Ukuba benindazi mna, ninge nimazi noBawo.

8:20b.JOH.008.020 Loo mazwi wawathetha uYesu ngasemkhumbini wokulondoloza imali, efundisa etempileni; akwabakho namnye umbambayo; ngokuba belingekafiki ilixa lakhe.

8:21b.JOH.008.021 Wabuya ngoko uYesu wathi kubo, Ndiyemka mna; niya kundifuna, nifele esonweni senu; apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina.

8:22b.JOH.008.022 Abesithi ngoko amaYuda, Angaba uya kuzibulala na, le nto athi, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina?

8:23b.JOH.008.023 Wathi kuwo, Nina ningabangaphantsi, mna ndingowangaphezulu; nina ningabeli hlabathi, mna andingoweli hlabathi.

8:24b.JOH.008.024 Ndatsho ngoko kuni ukuthi, Niya kufela ezonweni zenu; kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu.

8:25b.JOH.008.025 Abesithi ngoko kuye, Ungubani wena? Wathi kuwo uYesu, Ndiyiloo nto ndayixelayo kuni kwasekuqaleni.

8:26b.JOH.008.026 Ndineendawo ezininzi zokuthetha nokugweba ngani; lowo wandithumayo uyinene; ndithi ke mna, izinto endazivayo kuye, ndithethe zona ezo kwihlabathi.

8:27b.JOH.008.027 Akaqondanga ukuba ebethetha ngoYise kuwo.

8:28b.JOH.008.028 Wathi ngoko uYesu kuwo, Xa nithe namphakamisa uNyana woMntu, noqonda oko ukuba ndinguye, nokuba andenzi nto ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo.

8:29b.JOH.008.029 Lowo wandithumayo unam; uBawo akandishiyanga ndedwa; ngokuba mna ndihleli ndizenza izinto ezikholekileyo kuye.

8:30b.JOH.008.030 Akubon’ ukuba uyazithetha ezi zinto, bakholwa kuye, baba baninzi.

8:31b.JOH.008.031 Ubesithi ngoko uYesu kuloo maYuda akholiweyo kuye, Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso.

8:32b.JOH.008.032 Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.

8:33b.JOH.008.033 Amphendula, athi, Thina siyimbewu ka-Abraham; asizanga sibe sebukhobokeni nakubani; utsho ngani na wena ukuthi, Noba ngabakhululekileyo?

8:34b.JOH.008.034 Uwaphendule uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Bonke abenza isono bangamakhoboka esono.

8:35b.JOH.008.035 Ikhoboka ke alihlali endlwini ngonaphakade; ngunyana ohlala ngonaphakade.

8:36b.JOH.008.036 Ngoko ukuba uNyana uthe wanikhulula, noba nikhululekile inene.

8:37b.JOH.008.037 Ndiyazi ukuba niyimbewu ka-Abraham; ke nifuna ukundibulala, ngokuba ilizwi lam lingenakuhamba kuni.

8:38b.JOH.008.038 Mna ndithetha endikubonileyo kuBawo; nani ke nenza enikubonileyo kuyihlo.

8:39b.JOH.008.039 Aphendula athi kuye, Ubawo thina nguAbraham. Athi kuwo uYesu, Ukuba nibe ningabantwana baka-Abraham, ninge niyenza imisebenzi ka-Abraham.

8:40b.JOH.008.040 Kaloku ke, nifuna ukubulala mna, mntu unixelele inyaniso endayiva kuThixo; akakwenzanga oko uAbraham.

8:41b.JOH.008.041 Nina nenza imisebenzi yooyihlo. Athi ngoko kuye, Thina asizelwe ngabuhenyu, sinaBawo mnye, uThixo.

8:42b.JOH.008.042 Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo.

8:43b.JOH.008.043 Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam? Kungokuba ningenakuliva ilizwi lam.

8:44b.JOH.008.044 Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo.

8:45b.JOH.008.045 Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim.

8:46b.JOH.008.046 Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningakholwa ndim?

8:47b.JOH.008.047 Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo.

8:48b.JOH.008.048 Aphendula ngoko amaYuda, athi kuye, Asilungisi na thina ukuthi ungumSamariya wena, nokuthi unedemon?

8:49b.JOH.008.049 Waphendula uYesu wathi, Andinademon mna; ndibeka uBawo; nina ke nibe nindihlaza.

8:50b.JOH.008.050 Mna ke andifuni luzuko lwam; ukho lowo ufunayo, ugwebayo.

8:51b.JOH.008.051 Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa naphakade.

8:52b.JOH.008.052 Athi ngoko amaYuda kuye, Kukalokunje, siyazi ukuba unedemon. UAbraham wafa, nabo abaprofeti bafa, ube wena usithi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza eve kufa naphakade.

8:53b.JOH.008.053 Wena ungaba umkhulu yini na kunobawo wethu uAbraham, yena wafayo? Nabaprofeti bafa; uzenza bani na wena?

8:54b.JOH.008.054 Waphendula uYesu wathi, Ukuba mna ndithi ndizizukise, uzuko lwam alungebi nto; nguBawo ondizukisayo; enithi nina nguThixo wenu.

8:55b.JOH.008.055 Kanti ke animazanga, mna ke ndiyamazi. Ukuba ke ndithe andimazi, ndoba ndilixoki njengani; ndiyamazi, ndiligcinile nelizwi lakhe.

8:56b.JOH.008.056 UAbraham, uyihlo, wagcobela ukuwubona umhla wam; wawubona, wavuya.

8:57b.JOH.008.057 Athi ngoko amaYuda kuye, Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, umbonile na uAbraham?

8:58b.JOH.008.058 Wathi kuwo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade.

8:59b.JOH.008.059 Ngoko achola amatye, ukuze amgibisele; wazimela ke uYesu, waphuma etempileni, wacanda phakathi kwawo; wenjenjalo ukudlula.

9

9:1b.JOH.009.001 Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe.

9:2b.JOH.009.002 Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje?

9:3b.JOH.009.003 Waphendula uYesu wathi, Akone lo, akone bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye imisebenzi kaThixo.

9:4b.JOH.009.004 Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza.

9:5b.JOH.009.005 Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi.

9:6b.JOH.009.006 Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawaqaba amehlo emfama ngodaka olo.

9:7b.JOH.009.007 Wathi kuyo, Yiya kuhlamba echibini leSilowa (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thunyiwe). Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona.

9:8b.JOH.009.008 Baye ngoko abamelwane, nababembona ngaphambili ukuba uyimfama, besithi, Lo asinguye na obehleli engqiba?

9:9b.JOH.009.009 Abanye babesithi, Nguye lo; bambi ke bathi, ufana naye; yena ke wayesithi, Ndinguye.

9:10b.JOH.009.010 Babesithi ngoko kuye, Atheni na ukuvuleka amehlo akho?

9:11b.JOH.009.011 Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenze udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona.

9:12b.JOH.009.012 Bathi ngoko kuye, Uphi na yena? Athi, Andazi.

9:13b.JOH.009.013 Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama.

9:14b.JOH.009.014 Ke kaloku yaye iyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe.

9:15b.JOH.009.015 Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba utheni na ukuba abuye abone. Wathi ke yena kubo, Ubeke udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; ndiyabona ke.

9:16b.JOH.009.016 Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angathini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? Bathi qheke kubini.

9:17b.JOH.009.017 Babuya bathi kwimfama, Uthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Uthe ke yena, Ungumprofeti.

9:18b.JOH.009.018 Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuye wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona.

9:19b.JOH.009.019 Aza ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama? Phofu ubona ngani na ngoku?

9:20b.JOH.009.020 Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama;

9:21b.JOH.009.021 le nto ke abonayo ngoku asazi, novule amehlo akhe, asimazi thina; uselemkhulu yena, buzani kuye, wozithethela.

9:22b.JOH.009.022 Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba nguKristu, aze akhutshwe esikhungwini.

9:23b.JOH.009.023 Kungenxa yoko abazali bakhe bathi, Uselemkhulu, buzani kuye.

9:24b.JOH.009.024 Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni.

9:25b.JOH.009.025 Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi nto-nye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona.

9:26b.JOH.009.026 Abuye ke athi kuye, Wenze ntoni na kuwe? utheni na ukuwavula amehlo akho?

9:27b.JOH.009.027 Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na?

9:28b.JOH.009.028 Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses.

9:29b.JOH.009.029 Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona.

9:30b.JOH.009.030 Waphendula umntu lowo, wathi kuwo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningazi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am.

9:31b.JOH.009.031 Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo.

9:32b.JOH.009.032 Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama.

9:33b.JOH.009.033 Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto.

9:34b.JOH.009.034 Aphendula athi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; ufundisa thina na wena? Amkhuphela ngaphandle.

9:35b.JOH.009.035 Weva uYesu ukuba amkhuphele ngaphandle. Uthe akumfumana wathi kuye, Wena uyakholwa na kuNyana kaThixo?

9:36b.JOH.009.036 Uphendule yena wathi, Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye?

9:37b.JOH.009.037 Uthe ke uYesu kuye, Umbonile; nguye lo uthetha nawe.

9:38b.JOH.009.038 Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye.

9:39b.JOH.009.039 Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone, bathi ababonayo babe ziimfama.

9:40b.JOH.009.040 Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na?

9:41b.JOH.009.041 Uthe ke kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ke ngoko isono senu sihleli.

10

10:1b.JOH.010.001 Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange.

10:2b.JOH.010.002 Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu.

10:3b.JOH.010.003 Umgcini-sango uyamvulela lowo; zithi nezimvu zilive izwi lakhe azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona.

10:4b.JOH.010.004 Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zithi nezimvu zimlandele; ngokuba zilazi izwi lakhe.

10:5b.JOH.010.005 Ke owasemzini azingemlandeli; zosuka zimbaleke, ngokuba zingalazi izwi labasemzini.

10:6b.JOH.010.006 Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo.

10:7b.JOH.010.007 Wabuya wathi ngoko kubo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu.

10:8b.JOH.010.008 Bonke abezayo ngaphambi kwam bangamasela nezihange; ke zona izimvu azibevanga.

10:9b.JOH.010.009 Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani.

10:10b.JOH.010.010 Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.

10:11b.JOH.010.011 Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu.

10:12b.JOH.010.012 Ke yena ongumqeshwa, engengumalusi, ezingezizo ezakhe izimvu, uyibona ingcuka isiza, azishiye izimvu, abaleke, ize ingcuka izibambe, izichithachithe izimvu.

10:13b.JOH.010.013 Umqeshwa lo ke ubaleka ngokuba engumqeshwa, engazikhathalele izimvu.

10:14b.JOH.010.014 Ndim umalusi olungileyo; ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam.

10:15b.JOH.010.015 Njengokuba endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu.

10:16b.JOH.010.016 Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.

10:17b.JOH.010.017 Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe.

10:18b.JOH.010.018 Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo.

10:19b.JOH.010.019 Abuya ngoko amaYuda athi qheke kubini ngenxa yala mazwi.

10:20b.JOH.010.020 Yayisithi ke into eninzi kuwo, Unedemon, uyageza; yini na ukuba nimphulaphule?

10:21b.JOH.010.021 Abanye babesithi, La mazwi asingawo awophethwe yidemon: idemon ingaba inako yini na ukuvula amehlo emfama?

10:22b.JOH.010.022 Ke kaloku, kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika.

10:23b.JOH.010.023 Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni kaSolomon.

10:24b.JOH.010.024 Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu, sixelele ngokuphandle.

10:25b.JOH.010.025 Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam.

10:26b.JOH.010.026 Nina anikholwa; kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo.

10:27b.JOH.010.027 Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;

10:28b.JOH.010.028 mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.

10:29b.JOH.010.029 UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo.

10:30b.JOH.010.030 Mna noBawo sibanye.

10:31b.JOH.010.031 Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube.

10:32b.JOH.010.032 Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi kuyo?

10:33b.JOH.010.033 Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulu beli msebenzi mhle, sikuxuluba ngokuba unyelisa; nangokuba wena usithi, ungumntu nje, usuke uzenze uThixo.

10:34b.JOH.010.034 Uwaphendule uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo?

10:35b.JOH.010.035 Ukuba uthe bona bangoothixo, eleza kubo ilizwi likaThixo (sibe isibhalo singenakwaphulwa),

10:36b.JOH.010.036 nitsho na nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Uyanyelisa; ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo?

10:37b.JOH.010.037 Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim.

10:38b.JOH.010.038 Ke ukuba ndiyayenza, nokuba anikholwa ndim, kholwani yiyo yona imisebenzi; ukuze nazi, nikholwe, ukuba uBawo ukum, nam ndikuye.

10:39b.JOH.010.039 Abuya ngoko afuna ukumbamba; waphuluka ezandleni zawo.

10:40b.JOH.010.040 Wabuya wemka, waya phesheya kweYordan, kwindawo abebhaptizela kuyo uYohane kuqala; wahlala khona.

10:41b.JOH.010.041 Kweza babaninzi kuye, bathi, UYohane okunene akenzanga namnye umqondiso; kodwa ke zonke izinto, awazithethayo uYohane ngaye lo, zaziyinene.

10:42b.JOH.010.042 Bathi abaninzi bakholwa kuye khona apho.

11

11:1b.JOH.011.001 Ke kaloku, kwaye kusifa umntu othile, uLazaro waseBhetani, umzi wakulooMariya, noMarta udade wabo.

11:2b.JOH.011.002 Yaye ke inguloo Mariya, wayithambisayo iNkosi ngamafutha aqholiweyo, wazisulayo iinyawo zayo ngeenwele zakhe, omnakwabo uLazaro wayesifa.

11:3b.JOH.011.003 Bathumela ngoko oodade babo kuye, besithi, Nkosi, uyabona, lowo umthandayo uyafa.

11:4b.JOH.011.004 Evile ke uYesu wathi, Esi sifo asiyelele kufeni; singenxa yozuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso.

11:5b.JOH.011.005 Ke uYesu wayebathanda ooMarta nomsakwabo noLazaro.

11:6b.JOH.011.006 Uthe ngoko akuva ukuba uyafa, wakha okunene wahlala kuloo ndawo abekuyo iintsuku ezimbini.

11:7b.JOH.011.007 Waza emveni koko wathi kubo abafundi, Masibuye siye kwelakwaYuda.

11:8b.JOH.011.008 Bathi abafundi kuye, Rabhi, amaYuda ebefuna ngoku ukukuxuluba ngamatye nje, ubuya uye khona na?

11:9b.JOH.011.009 Waphendula uYesu wathi, Akalishumi elinamabini na amaxa emini? Ukuba umntu uthi ahambe emini, akakhubeki; ngokuba elubona ukhanyiselo lweli hlabathi.

11:10b.JOH.011.010 Ke ukuba umntu uthi ahambe ebusuku, uyakhubeka; ngokuba ukukhanya kungekho kuye.

11:11b.JOH.011.011 Wazithetha ezi zinto; aze emveni koko athi kubo, ULazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse.

11:12b.JOH.011.012 Bathi ngoko abafundi bakhe, Nkosi, ukuba ulele, wosinda.

11:13b.JOH.011.013 Ke yena uYesu ubethetha ukufa kwakhe. Bona ke bebeba uthetha ngokulala ubuthongo.

11:14b.JOH.011.014 Wandula ngoku uYesu wathi kubo ngokungafihilisiyo, ULazaro ufile.

11:15b.JOH.011.015 Ndiyavuya ke ngenxa yenu, ukuba ndibe ndingekho khona, ukuze nikholwe. Noko ke masiye kuye.

11:16b.JOH.011.016 Uthe ngoko uTomas, okuthiwa nguDidimo, kubafundi kunye naye, Masiye nathi, ukuze sife naye.

11:17b.JOH.011.017 Efikile ngoko uYesu, wafika eselesengcwabeni iintsuku zone.

11:18b.JOH.011.018 (Ke kaloku iBhetani ibikufuphi neYerusalem, umgama wayo uzizitadiya ezingathi zilishumi elinazihlanu.)

11:19b.JOH.011.019 Kwakufike abaninzi bakumaYuda, kwabo babenoMarta noMariya, ukuze babakhuze ngaye umnakwabo.

11:20b.JOH.011.020 Akuva ngoko uMarta ukuba uYesu uyeza, wamhlangabeza; ke yena uMariya wahlala endlwini.

11:21b.JOH.011.021 Wathi ngoko uMarta kuYesu, Nkosi, ukuba ubulapha, umnakwethu ange engafanga.

11:22b.JOH.011.022 Nangoku ndiyazi ukuba, ongathi ukucele kuThixo, oko wokunika uThixo.

11:23b.JOH.011.023 Athi kuye uYesu, Umnakwenu uya kubuya avuke.

11:24b.JOH.011.024 Athi uMarta kuye, Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela.

11:25b.JOH.011.025 Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi.

11:26b.JOH.011.026 Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; uyakholwa na koko?

11:27b.JOH.011.027 Athi kuye, Ewe, Nkosi, mna ndiyakholwa ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo, lowo uzayo ehlabathini.

11:28b.JOH.011.028 Waza etshilo wemka, waya wabiza uMariya umsakwabo ngasese, wathi, UMfundisi ukho, uyakubiza.

11:29b.JOH.011.029 Uthi yena, akuva oko, asuke kamsinya eze kuye.

11:30b.JOH.011.030 (Ke kaloku, uYesu ebengekangeni phakathi komzi; wayesekuloo ndawo uMarta wamhlangabeza ekuyo.)

11:31b.JOH.011.031 Athe ngoko amaYuda abenaye endlwini emkhuza, akumbona uMariya, ukuba usuke kamsinya waphuma, amlandela esithi, Uya engcwabeni, ukuya kulila khona.

11:32b.JOH.011.032 UMariya ngoko, akufika apho uYesu ebekhona, akumbona, wawa ezinyaweni zakhe, esithi kuye, Nkosi, ukuba ubulapha, ange engafanga umnakwethu.

11:33b.JOH.011.033 Uthe ngoko uYesu, akumbona elila, namaYuda abeze naye elila, wafutheka, wakhathazeka.

11:34b.JOH.011.034 Wathi, Nimbeke phi na? Bathi kuye, Nkosi, yiza ubone.

11:35b.JOH.011.035 UYesu walila.

11:36b.JOH.011.036 Ayesithi ngoko amaYuda, Yabonani ke ukumthanda kwakhe!

11:37b.JOH.011.037 Ke abathile kuwo bathi, Ubengenako na lo, wawavulayo amehlo emfama, ukwenza ukuba nalo angafi?

11:38b.JOH.011.038 Abuye ke uYesu afutheke ngaphakathi kwakhe, eze engcwabeni. Laye ke lingumqolomba, kubekwe ilitye kuwo.

11:39b.JOH.011.039 Athi uYesu, Lisuseni ilitye. Athi kuye uMarta, udade wofileyo, Nkosi, uselenuka, kuba untsuku-ne efile.

11:40b.JOH.011.040 Athi uYesu kuye, Anditshongo na kuwe ukuthi, Ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo?

11:41b.JOH.011.041 Balisusa ngoko ilitye apho abelele khona ofileyo. Wawaphakamisa ke amehlo uYesu, wakhangela phezulu, wathi, Bawo, ndiyabulela kuwe kuba undivile.

11:42b.JOH.011.042 Mna ke bendisazi ukuba uhleli undiva; ke nditsho ngenxa yesihlwele esixhonteleyo, ukuze bakholwe ukuba wena wandithuma.

11:43b.JOH.011.043 Etshilo ke, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Lazaro, phuma.

11:44b.JOH.011.044 Waphuma ofileyo, ebotshiwe iinyawo nezandla ngezithandelo, nobuso bakhe bujikelwe ngeqhiya. Athi kubo uYesu, Mkhululeni, nimyeke ahambe.

11:45b.JOH.011.045 Ithe ngoko into eninzi kumaYuda, ebize kuMariya, yakuzibona izinto azenzileyo uYesu, yakholwa kuye.

11:46b.JOH.011.046 Ke abathile kuwo bemka baya kubaFarisi, babaxelela izinto azenzileyo uYesu.

11:47b.JOH.011.047 Bahlanganisa ngoko ababingeleli abakhulu nabaFarisi intlanganiso yamatyala, bathi, Senza ntoni na? Ngokuba lo mntu wenza imiqondiso emininzi.

11:48b.JOH.011.048 Ukuba sithe samyeka ngokunje, bonke baya kukholwa kuye; athi ke amaRoma eze, athimbe indawo yethu, kwanohlanga lwethu.

11:49b.JOH.011.049 Ke kaloku omnye wabo, uKayafa, engumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka, wathi kubo, Anazi nto nina;

11:50b.JOH.011.050 kananjalo aniqondi ukuba kusilungele, ukuba kufe umntu abe mnye ngenza yabantu, ukuze lungatshabalali uhlanga luphela.

11:51b.JOH.011.051 Oku ke akakuthethanga kuphuma kuye; wathi, kuba ebengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka, waprofeta ukuba uYesu uza kulufela uhlanga;

11:52b.JOH.011.052 kungabi ngenxa yohlanga olo lodwa, kube ngenxa yabantwana bakaThixo abalusali, ukuba abahlanganisele ndawonye.

11:53b.JOH.011.053 Kususela kuloo mini ngoko babhunga ukuba bambulale.

11:54b.JOH.011.054 Ngoko uYesu akabanga sahamba ekuhleni phakathi kwamaYuda; wasuka wemka apho, waya ezweni elikufuphi nentlango, emzini ekuthiwa kukwaEfrayim; walibala khona apho nabafundi bakhe.

11:55b.JOH.011.055 Ke kaloku yayikufuphi ipasika yamaYuda; kwenyuka into eninzi iphuma kwelo zwe, yaya eYerusalem phambi kwayo ipasika, ukuze izenze nyulu.

11:56b.JOH.011.056 Ayemfuna ngoko uYesu, ethetha odwa, emi etempileni, esithi, Nithini na? akasayi kuza na emthendelekweni?

11:57b.JOH.011.057 Ke kaloku ababingeleli abakhulu nabaFarisi babewise umthetho wokuthi, ukuba umntu uthe wazi apho akhona, maze axele, ukuze bambambe.

12

12:1b.JOH.012.001 UYesu ngoko, kwiintsuku ezintandathu eziphambi kwayo ipasika, weza eBhetani, apho ebekhona uLazaro owayefile, awamvusayo kwabafileyo.

12:2b.JOH.012.002 Ngoko bamenzela isidlo khona, waye uMarta elungiselela; uLazaro ke ebengomnye wabo babehleli naye besidla.

12:3b.JOH.012.003 Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi engangxengelelweyo, exabiso, likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo.

12:4b.JOH.012.004 Uthi ngoko omnye umfundi wakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo ubeza kumngcatsha,

12:5b.JOH.012.005 Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angathengiswa ngeedenariyo ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu?

12:6b.JOH.012.006 Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; watsho kuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphathwa nguye izinto ezifakwa kuyo.

12:7b.JOH.012.007 Uthe ngoko uYesu, Myeke; uwalondolozele imini yokungcwatywa kwam.

12:8b.JOH.012.008 Kuba amahlwempu la nihleli ninawo; mna ke anihleli ninam.

12:9b.JOH.012.009 Yathi ngoko indimbane enkulu yakumaYuda yakwazi ukuba ulapho; yeza kungengenxa kaYesu yedwa, yeza ukuze ibone noLazaro, lowo wamvusayo kwabafileyo.

12:10b.JOH.012.010 Ke kaloku ababingeleli abakhulu babhunga ukuze bambulale noLazaro;

12:11b.JOH.012.011 ngokuba ngenxa yakhe abaninzi bamaYuda bemka, bakholwa kuye uYesu.

12:12b.JOH.012.012 Ngengomso indimbane enkulu, eyabe ize emthendelekweni, yakuva ukuba uYesu uyeza eYerusalem,

12:13b.JOH.012.013 yathabatha amasebe esundu, yaphuma, yaya kumhlangabeza; yadanduluka isithi, Hosana! makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani kaSirayeli!

12:14b.JOH.012.014 UYesu, efumene ke iesilana, wahlala phezu kwalo, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,

12:15b.JOH.012.015 Musa ukoyika, ntombi Ziyon; nanko ukumkani wakho esiza, ehleli phezu kwethole le-esile.

12:16b.JOH.012.016 Ezi zinto ke abaziqondanga abafundi bakhe ukuqala; bathi kodwa, akuba ezukisiwe uYesu, bandula ukukhumbula ukuba ezi zinto zaye zibhaliwe ngaye, nokuba bazenza ezi zinto kuye.

12:17b.JOH.012.017 Yaye ingqina ngoko indimbane leyo, ibe inaye oko wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, wamvusa kwabafileyo.

12:18b.JOH.012.018 Ngenxa yoko indimbane yamhlangabeza; ngokuba yayivile ukuba uwenzile lo mqondiso.

12:19b.JOH.012.019 Bathe ngoko abaFarisi phakathi kwabo, Niyabona na kodwa ukuba anincedi lutho? Yabonani, ulandelwa lilizwe lonke.

12:20b.JOH.012.020 Ke kaloku, kwakukho amaGrike athile kwababenyukile, beze kunqula emthendelekweni.

12:21b.JOH.012.021 Wona ngoko eza kuFilipu waseBhetesayida yelaseGalili, acela kuye, esithi, Nkosi, singa singabona uYesu.

12:22b.JOH.012.022 Ufika uFilipu axelele uAndreya; bathi kanjalo ooAndreya noFilipu baxelele uYesu.

12:23b.JOH.012.023 Wabaphendula ke uYesu esithi, Lifikile ilixa lokuba uNyana woMntu azukiswe.

12:24b.JOH.012.024 Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi.

12:25b.JOH.012.025 Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade.

12:26b.JOH.012.026 Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba khona apho nondikhonzayo; ukuba umntu uthi andikhonze, uBawo wombeka.

12:27b.JOH.012.027 Kukalokunje umphefumlo wam ukhathazekile, mandithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa. Hayi, ndizele khona oku kweli lixa.

12:28b.JOH.012.028 Bawo, lizukise igama lakho. Kweza ngoko izwi liphuma ezulwini, lisithi, Ndilizukisile, ndiya kubuya ndilizukise.

12:29b.JOH.012.029 Isihlwele ngoko esasimi seva, sathi, Liyaduduma. Abanye bathi, Kuthethe isithunywa sezulu kuye.

12:30b.JOH.012.030 Waphendula uYesu wathi, Eli lizwi alibangakho ngenxa yam; libekho ngenxa yenu.

12:31b.JOH.012.031 Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; kungoku umphathi walo eli hlabathi aya kukhutshelwa phandle.

12:32b.JOH.012.032 Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum.

12:33b.JOH.012.033 (Wayesitsho ke, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.)

12:34b.JOH.012.034 Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni, ukuba uKristu yena uhlala ngonaphakade; utsho ngani na wena ukuthi, UNyana woMntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Ungubani na lo Nyana woMntu?

12:35b.JOH.012.035 Uthe ngoko uYesu kubo, Liselilifutshane ixesha lokuba ukhanyiso lube nani. Hambani, nisenalo nje ukhanyiso, ukuze ubumnyama bunganiqubuli; lowo uhamba ebumnyameni, akazi apho aya khona.

12:36b.JOH.012.036 Nisenalo nje ukhanyiso, kholwani kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngabokhanyiso. Wazithetha uYesu ezi zinto, wemka, wabazimela.

12:37b.JOH.012.037 Ke kaloku, nakuba wayenze imiqondiso engaka phambi kwabo, abakholwanga kuye;

12:38b.JOH.012.038 ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke, awalithethayo esithi, Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu? Nengalo yeNkosi ityhileke kubani na?

12:39b.JOH.012.039 Ngenxa yoku babengenako ukukholwa, ngokuba uIsaya ubuya athi,

12:40b.JOH.012.040 Uwamfamekisile amehlo abo, Uyiqaqadekisile nentliziyo yabo, Hleze babone ngamehlo, baqiqe ngentliziyo, Bajike, Ndibaphilise.

12:41b.JOH.012.041 Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye.

12:42b.JOH.012.042 Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini;

12:43b.JOH.012.043 kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo.

12:44b.JOH.012.044 Ke yena uYesu wadanduluka wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo.

12:45b.JOH.012.045 Lowo undibonayo, ubona owandithumayo.

12:46b.JOH.012.046 Mna, lukhanyiso, ndifikile ehlabathini, ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni.

12:47b.JOH.012.047 Nokuba umntu uthe weva amazwi la am, akakholwa, mna andimgwebi; kuba andize kuligweba ihlabathi, ndize kulisindisa ihlabathi.

12:48b.JOH.012.048 Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.

12:49b.JOH.012.049 Ngokuba mna andithethanga okuphuma kum; owandithumayo, uBawo ngokwakhe, nguye owandiwisela umthetho wokuba ndithini na, nokuba ndithethe ntoni na.

12:50b.JOH.012.050 Ndiyazi nokwazi ukuba umthetho wakhe lowo bubomi obungunaphakade. Ngoko izinto endizithethayo mna, njengoko uBawo andixeleleyo, ndenjenjalo ukuzithetha.

13

13:1b.JOH.013.001 Ke kaloku, phambi komthendeleko wepasika, esazi uYesu ukuba lifikile ilixa lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise, ebathandile abakhe abasehlabathini, wabathanda kwada kwasekupheleni.

13:2b.JOH.013.002 Kwakubakho isidlo sangokuhlwa (akubon’ ukuba uMtyholi selekufakile entliziyweni kaYuda Sikariyoti, okaSimon, ukuba amngcatshe),

13:3b.JOH.013.003 esazi uYesu ukuba uYise uzinikele zonke izinto ezandleni zakhe, nokuba waphuma kuThixo, esiya kuThixo:

13:4b.JOH.013.004 usuka esidlweni, azibeke phantsi iingubo zakhe, athabathe itawuli abhinqe;

13:5b.JOH.013.005 aze agalele amanzi esityeni sokuhlambela, aqale ukuzihlamba iinyawo zabafundi, nokuzisula ngetawuli abeyibhinqile.

13:6b.JOH.013.006 Uza ke kuSimon Petros; athi yena kuye, Nkosi, zihlanjwe nguwe na iinyawo zam?

13:7b.JOH.013.007 Waphendula uYesu, wathi kuye, Endikwenzayo mna akukwazi wena okwangoku; kodwa wokuqonda kamva.

13:8b.JOH.013.008 Athi uPetros kuye, Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade. Umphendule UYesu, wathi, Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam.

13:9b.JOH.013.009 Athi uSimon Petros kuye, Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko.

13:10b.JOH.013.010 Uthi uYesu kuye, Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; uhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.

13:11b.JOH.013.011 Kuba ebemazi lowo umnikelayo; ngenxa yoko wathi, Anihlambulukile nonke.

13:12b.JOH.013.012 Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni?

13:13b.JOH.013.013 Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; niyalungisa ukutsho, kuba kunjalo.

13:14b.JOH.013.014 Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndiyiNkosi, ndinguMfundisi, nani nifanele ukuhlambana iinyawo.

13:15b.JOH.013.015 Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenze ngako mna kuni.

13:16b.JOH.013.016 Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe, namthunywa umkhulu kunalowo umthumileyo.

13:17b.JOH.013.017 Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.

13:18b.JOH.013.018 Andithethi ngani, nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.

13:19b.JOH.013.019 Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye.

13:20b.JOH.013.020 Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; lowo wamkela mna ke, wamkela owandithumayo.

13:21b.JOH.013.021 Ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha.

13:22b.JOH.013.022 Baye ngoko abafundi bekhangelana, bethingaza ukuba uthetha bani na.

13:23b.JOH.013.023 Ke kaloku, bekwayame esifubeni sikaYesu omnye umfundi wakhe, obethandwa nguYesu.

13:24b.JOH.013.024 Unqwala ngoko uSimon Petros kulowo, ukuba abuze ukuba angaba uthetha bani na.

13:25b.JOH.013.025 Ayamile ke yena esifubeni sikaYesu, uthi kuye, Nkosi, nguwuphi na?

13:26b.JOH.013.026 Uphendule uYesu wathi, Ngulowo ndiya kumnika mna iqhekeza, ndakuba ndilithe nkxu. Akulithi nkxu iqhekeza, walinika uYuda Sikariyoti, okaSimon.

13:27b.JOH.013.027 Waza emveni kweqhekeza elo, wangena uSathana kuye lowo. Uthi ngoko uYesu kuye, Okwenzayo, kwenze kamsinya.

13:28b.JOH.013.028 Ke kaloku, bekungekho namnye, kwababehleli naye esithebeni, ubesazi ukuba utsho ngani na kuye.

13:29b.JOH.013.029 Kuba abathile, ekubeni ingxowa ibikuYuda, bebeba uYesu uthi kuye, Thenga ezo zinto sizifunela umthendeleko; mhlawumbi uthi makawanike into amahlwempu.

13:30b.JOH.013.030 Elithabathile ngoko yena iqhekeza, waphuma kwaoko; kwaye ke kusebusuku.

13:31b.JOH.013.031 Xeshikweni ngoko aphumileyo, uthi uYesu, Kukalokunje, uNyana woMntu uzukisiwe, naye uThixo uzukisiwe kuye.

13:32b.JOH.013.032 Ukuba ke uThixo uzukisiwe kuye, noThixo uya kumzukisa kuye ngokwakhe, waye eya kumzukisa kwangoku.

13:33b.JOH.013.033 Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina: nditsho nakuni ngoku.

13:34b.JOH.013.034 Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane.

13:35b.JOH.013.035 Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.

13:36b.JOH.013.036 Wathi uSimon Petros kuye, Nkosi, uya ngaphi na wena? Umphendule uYesu wathi, Apho ndiya khona, akunakundilandela kalokunje; wondilandela ke kamva.

13:37b.JOH.013.037 Uthi uPetros kuye, Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam.

13:38b.JOH.013.038 Wamphendula uYesu wathi, Wowuncamela mna na umphefumlo wakho? Inene, inene, ndithi kuwe, Ayisayi kulila inkuku, ungathanga undikhanyele kathathu.

14

14:1b.JOH.014.001 Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum.

14:2b.JOH.014.002 Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo;

14:3b.JOH.014.003 ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.

14:4b.JOH.014.004 Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi.

14:5b.JOH.014.005 Uthi uTomas kuye, Nkosi, asazi apho uya khona; singathini na ke ukuyazi indlela?

14:6b.JOH.014.006 Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.

14:7b.JOH.014.007 Ukuba benindazile mna, ninge nimazile noBawo; ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.

14:8b.JOH.014.008 Athi uFilipu kuye, Nkosi, sibonise uYihlo, kosanelisa.

14:9b.JOH.014.009 Uthi uYesu kuye, Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu? Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo; utsho ngani na ke wena ukuthi, Sibonise uYihlo?

14:10b.JOH.014.010 Akukholwa na ukuba mna ndikuye uBawo, abe ke uBawo ekum? Amazwi endiwathethayo mna kuni, andiwathethi ephuma kum; uBawo ke ohleli kum, nguye oyenzayo imisebenzi le.

14:11b.JOH.014.011 Kholwani ndim, ukuba mna ndikuye uBawo, nokuba uBawo ukum; okanye ke, kholwani ndim ngenxa yayo imisebenzi leyo.

14:12b.JOH.014.012 Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza, ngokuba mna ndisiya kuye uBawo.

14:13b.JOH.014.013 Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana.

14:14b.JOH.014.014 Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.

14:15b.JOH.014.015 Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam.

14:16b.JOH.014.016 Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade:

14:17b.JOH.014.017 uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.

14:18b.JOH.014.018 Andiyi kunishiya niziinkedama, ndiyeza kuni.

14:19b.JOH.014.019 Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona; ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi.

14:20b.JOH.014.020 Ngaloo mini niya kwazi nina ukuba ndikuye uBawo, nani nikum, nam ndikuni.

14:21b.JOH.014.021 Lowo unayo imithetho yam ayigcine, nguye ondithandayo; lowo ke undithandayo, uya kuthandwa nguBawo; nam ndiya kumthanda, ndizibonakalalise kuye.

14:22b.JOH.014.022 Athi kuye uYuda (ingenguye uSikariyoti), Nkosi, kutheni na, le nto uza kuzibonakalalisa kuthi, ungazibonakalalisi kulo ihlabathi?

14:23b.JOH.014.023 Waphendula uYesu wathi kuye, Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi uBawo amthande, size kuye, sihlale naye.

14:24b.JOH.014.024 Lowo ungandithandiyo akawagcini amazwi am; ilizwi enilivayo asililo elam, lelikaBawo owandithumayo.

14:25b.JOH.014.025 Ezi zinto ndizithethile kuni ndisahleli nani.

14:26b.JOH.014.026 Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.

14:27b.JOH.014.027 Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala.

14:28b.JOH.014.028 Nivile ukuba ndithe mna kuni, Ndiyemka, ndibuye ndize kuni. Ukuba benindithanda, ngenavuyayo kuba ndathi, Ndiya kuBawo; ngokuba uBawo mkhulu kunam.

14:29b.JOH.014.029 Ngoku ke ndinixelele kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe.

14:30b.JOH.014.030 Andisayi kuba sathetha zinto zininzi nani; kuba esiza umphathi weli hlabathi, engenanto nam.

14:31b.JOH.014.031 Ke, ukuze liqonde ihlabathi ukuba ndiyamthanda uBawo, ndenza njengoko uBawo andiwisele umthetho. Vukani, simke apha.

15

15:1b.JOH.015.001 Mna ndingumdiliya wenyaniso, umlimi wawo ke nguBawo.

15:2b.JOH.015.002 Amasebe onke akum angathwali siqhamo, uyawasusa; onke athwala isiqhamo uyawathena, ukuze athwale isiqhamo ngakumbi.

15:3b.JOH.015.003 Nina nisenihlambulukile, ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni.

15:4b.JOH.015.004 Hlalani kum, mna ndihlale kuni. Njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni, ngokunjalo aninako nani, ningahlalanga kum.

15:5b.JOH.015.005 Umdiliya ndim, nina ningamasebe; lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto.

15:6b.JOH.015.006 Ukuba umntu uthe akahlala kum, ulahlelwa phandle njengesebe, ome; baze abantu bawabuthe, bawaphose emlilweni, atshiswe.

15:7b.JOH.015.007 Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe..

15:8b.JOH.015.008 Uzukiswa uBawo ngale nto, yokuba nithwale isiqhamo esininzi; niya kuba ngabam abafundi ke.

15:9b.JOH.015.009 Njengoko uBawo wandithandayo, nam ndanithanda; hlalani ke eluthandweni lwam.

15:10b.JOH.015.010 Ukuba nithi niyigcine imithetho yam, hlalani eluthandweni lwam; njengokuba mna ndayigcinayo imithetho kaBawo, ndahlala eluthandweni lwakhe.

15:11b.JOH.015.011 Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, luthi novuyo lwenu luzaliseke.

15:12b.JOH.015.012 Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina.

15:13b.JOH.015.013 Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.

15:14b.JOH.015.014 Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela khona mna.

15:15b.JOH.015.015 Andisatsho ukuthi ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; mna ke ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona.

15:16b.JOH.015.016 Asinini enanyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela, ukuze niye nithwale isiqhamo, nokuze isiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, nikunikwe.

15:17b.JOH.015.017 Ndiniwisela lo mthetho wokuba nithandane.

15:18b.JOH.015.018 Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiye kuqala kunani.

15:19b.JOH.015.019 Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi linge likuthanda okwalo; ke ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.

15:20b.JOH.015.020 Likhumbuleni ilizwi endalithethayo mna kuni, elithi, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba banditshutshisa mna, bonitshutshisa nani; ukuba ilizwi lam baligcina, nelenu boligcina.

15:21b.JOH.015.021 Ke ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam, ngokuba bengamazi owandithumayo.

15:22b.JOH.015.022 Ukuba bendingezanga ndathetha kubo, ngebengabanga nasono; ngoku abanasikhuselo sesono sabo.

15:23b.JOH.015.023 Lowo uthiye mna, uthiye noBawo.

15:24b.JOH.015.024 Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo imisebenzi engenziwanga mntu wumbi, ngebengabanga nasono; kaloku ke babonile; noko bandithiyile mna noBawo.

15:25b.JOH.015.025 Kwenzeke ukuze lizaliseke ilizwi elibhaliweyo emthethweni wabo, elithi, Bandithiya kungekho sizathu.

15:26b.JOH.015.026 Kodwa xa athe wafika uMthetheleli, endiya kumthuma mna kuni evela kuBawo, uMoya wenyaniso ophuma kuBawo, yena wongqina ngam.

15:27b.JOH.015.027 Nani ke niyangqina, ngokuba beninam kwasekuqaleni.

16

16:1b.JOH.016.001 Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze ningakhutyekiswa.

16:2b.JOH.016.002 Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo.

16:3b.JOH.016.003 Ezo zinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga uBawo kwanam.

16:4b.JOH.016.004 Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andinixelelanga kwasekuqaleni, ngokuba bendinani.

16:5b.JOH.016.005 Ngoku ke ndiyemka, ndiya kowandithumayo; akukho namnye kuni undibuzayo, athi, Uya phi na?

16:6b.JOH.016.006 Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu.

16:7b.JOH.016.007 Noko ke mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.

16:8b.JOH.016.008 Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo;

16:9b.JOH.016.009 ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum;

16:10b.JOH.016.010 ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona;

16:11b.JOH.016.011 ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe.

16:12b.JOH.016.012 Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku.

16:13b.JOH.016.013 Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo.

16:14b.JOH.016.014 Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke.

16:15b.JOH.016.015 Zonke ezo zinto anazo uBawo zezam; ngenxa yoko ndathi, uya kwamkela kokukokwam, aze anibikele.

16:16b.JOH.016.016 Selilixesha elifutshane, ize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone, ngokuba mna ndiya kuBawo.

16:17b.JOH.016.017 Ithe ngoko inxenye yakubafundi bakhe phakathi kwayo, Yintoni na le ayithethayo kuthi, athi, Liselilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nize nindibone; nokuthi, Mna ndiya kuBawo?

16:18b.JOH.016.018 Babesithi ngoko, Yintoni na le ayithethayo, athi, Lixesha elifutshane? Asiyazi into ayithethayo.

16:19b.JOH.016.019 Wazi ngoko uYesu ukuba babethanda ukumbuza, wathi kubo, Nibuzana ngale nto na, yokuba ndithe, Selilixesha elifutshane, nize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone?

16:20b.JOH.016.020 Inene, inene, ndithi kuni, niya kulila nihlahlambe, ke lona ihla bathi liya kuvuya; niya kuxhalaba nina, ke ukuxhalaba kwenu kuya kuba luvuyo.

16:21b.JOH.016.021 Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile; xa athe ke wazala umntwana, akabi sayikhumbula loo mbandezelo, ngenxa yovuyo lokuba kuzelwe umntu ehlabathini.

16:22b.JOH.016.022 Nani ke ngoko nixhalabile ngokunje; kodwa ndobuya ndinibone; yaye iya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akukho namnye uya kuluhlutha kuni.

16:23b.JOH.016.023 Nangaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika.

16:24b.JOH.016.024 Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.

16:25b.JOH.016.025 Ezi zinto ndizithethile kuni ngokuntsonkotha; kuza ilixa endingasayi kuba sathetha kuni ngokuntsonkotha; ndiya kunibikela ngokusekuhleni ngaye uBawo.

16:26b.JOH.016.026 Ngaloo mini niya kucela egameni lam; anditsho kuni ukuthi, ndiya kunicelela kuBawo;

16:27b.JOH.016.027 kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile, nakholwa ukuba mna ndaphuma kuThixo.

16:28b.JOH.016.028 Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini; ndibuya ndilishiye ihlabathi, ndiye kuBawo.

16:29b.JOH.016.029 Bathi kuye abafundi bakhe, Uyabona, ngoku uthetha ngokusekuhleni, akuthethi nto ngakuntsonkotha.

16:30b.JOH.016.030 Ngoku siyazi, ukuba uyazazi zonke izinto, akusafuneki kuwe ukuba ubani akubuze nto; ngaloo nto siyakholwa ukuba waphuma kuThixo.

16:31b.JOH.016.031 Wabaphendula uYesu wathi, Niyakholwa na ngoku?

16:32b.JOH.016.032 Yabonani, kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nichithwe, elowo aye kowabo, nindishiye ndedwa; ukanti andindedwa, ngokuba uBawo unam.

16:33b.JOH.016.033 Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.

17

17:1b.JOH.017.001 Ezi zinto wazithetha uYesu, wawaphakamisa amehlo akhe wakhangela ezulwini, wathi, Bawo, lifikile ilixa; mzukise uNyana wakho, ukuze noNyana wakho akuzukise;

17:2b.JOH.017.002 njengokuba wamnika igunya kubantu bonke, ukuze bonke omnike bona, abanike ubomi obungunaphakade.

17:3b.JOH.017.003 Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.

17:4b.JOH.017.004 Mna ndikuzukisile emhlabeni, ndiwufezile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.

17:5b.JOH.017.005 Ndizukise ke ngoku, wena Bawo, kuwe ngokwakho, ngozuko ebendinalo kuwe, lingekabikho ihlabathi.

17:6b.JOH.017.006 Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bona, bephuma ehlabathini; babengabakho, wabanika mna; ilizwi lakho balibambile ke.

17:7b.JOH.017.007 Ngoku baqondile, ukuba zonke izinto ondinike zona zivela kuwe.

17:8b.JOH.017.008 Ngokuba amazwi ondinike wona, ndiwanike bona; bona bawathabatha, baqonda ngokwenyaniso ukuba ndaphuma kuwe; bakholwa ukuba wena wandithuma.

17:9b.JOH.017.009 Mna ndicelela bona; andiceleli lona ihlabathi, ndicelela abo undinike bona; ngokuba bengabakho.

17:10b.JOH.017.010 Izinto zonke ezizezam zezakho, zibe ezakho zizezam; ndizukisekile ke kubo.

17:11b.JOH.017.011 Andisekhona ehlabathini, ke bona basesehlabathini; mna ndiza kuwe. Bawo oyingcwele, balondolozele egameni lakho abo undinike bona, ukuze babe banye njengathi.

17:12b.JOH.017.012 Oko bendinabo ehlabathini mna, bendibalondolozele egameni lakho; owandinika bona ndibagcinile; akukho namnye kubo utshabaleleyo, ingenguye lowo wentshabalalo, ukuze isibhalo sizaliseke.

17:13b.JOH.017.013 Ngoku ke ndiza kuwe; nezi zinto ndizithetha ehlabathini, ukuze babe nalo uvuyo lwam luzalisekile kubo.

17:14b.JOH.017.014 Mna ndibanike ilizwi lakho; laza ihlabathi labathiya, ngokuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.

17:15b.JOH.017.015 Andiceli ukuba ubasuse ehlabathini; ndicela ukuba ubagcine kuyo inkohlakalo.

17:16b.JOH.017.016 Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.

17:17b.JOH.017.017 Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.

17:18b.JOH.017.018 Njengokuba wandithuma ehlabathini, nam ndibathume bona ehlabathini.

17:19b.JOH.017.019 Ngenxa yabo ke ndiyazingcwalisa mna, ukuze nabo babe ngabangcwalisiweyo yinyaniso.

17:20b.JOH.017.020 Andiceleli ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo;

17:21b.JOH.017.021 ukuze bonke babe banye; njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi; ukuze ihlabathi likholwe ukuba wena wandithuma.

17:22b.JOH.017.022 Uzuko owandinika lona, ndilunike bona; ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye;

17:23b.JOH.017.023 mna ndikubo, wena ukum, ukuze babe ngabazalisekileyo ntweni-nye; ukuze liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, wabathanda, njengokuba wandithandayo nam.

17:24b.JOH.017.024 Bawo, ndithanda ukuba nabo abo undinike bona, babe nam, apho ndikhona mna; ukuze balubone uzuko lwam owandinika lona; ngokuba wandithanda kwaphambi kokusekwa kwehlabathi.

17:25b.JOH.017.025 Bawo olilungisa, ihlabathi lona alikwazanga, ke mna ndikwazile; naba bathe bazi ukuba wena undithumile;

17:26b.JOH.017.026 ndabazisa igama lakho, ndandiya kubazisa; ukuze uthando ondithande ngalo lube kubo, nam ndibe kubo.

18

18:1b.JOH.018.001 Akuzithetha uYesu ezi zinto, waphuma nabafundi bakhe, waya phesheya komlanjana oyiKidron, apho kwakukho umyezo, awangena kuwo yena nabafundi bakhe.

18:2b.JOH.018.002 NoYuda ke, lowo umngcatshayo, ubeyazi indawo leyo; kuba uYesu ubesakubutha futhi khona apho nabafundi bakhe.

18:3b.JOH.018.003 Athi ngoko uYuda, ethabathe ibutho lamasoldati namadindala kubabingeleli abakhulu nabaFarisi, eze khona enezikhanyiso nezibane neentonga.

18:4b.JOH.018.004 Ezazi ngoko uYesu zonke izinto ezimzelayo, waphuma, wathi kubo, Nifuna bani na?

18:5b.JOH.018.005 Bamphendula bathi, UYesu umNazarete. Athi kubo uYesu, Ndinguye. Wabemi ke nabo uYuda, lowo umngcatshayo.

18:6b.JOH.018.006 Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni.

18:7b.JOH.018.007 Wabuya ke wababuza esithi, Nifuna bani na? Bathi ke bona, UYesu umNazarete.

18:8b.JOH.018.008 Waphendula uYesu wathi, Ndinixelele ukuba ndinguye; ukuba ngoko nifuna mna, bayekeni aba bemke;

18:9b.JOH.018.009 ukuze lizaliseke ilizwi awalithethayo elithi, Kwabo undinike bona, andilahlekwanga namnye.

18:10b.JOH.018.010 Uthe ngoko uSimon Petros, enekrele, walirhola, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene; laye igama lomkhonzi lowo linguMalko.

18:11b.JOH.018.011 Uthe ngoko uYesu kuPetros, Lifake ikrele lakho esingxotyeni salo; indebe andinikileyo uBawo andisayi kuyisela na?

18:12b.JOH.018.012 Ibutho ngoko lamasoldati, nomthetheli-waka, namadindala amaYuda, bambamba uYesu, bambopha,

18:13b.JOH.018.013 bamrholela kuAnas kuqala; kuba wayengusomfazi kuKayafa, obengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka.

18:14b.JOH.018.014 Ke kaloku uKayafa wayengulowo wabhunga namaYuda ngokuthi, Kuyinto elungileyo, ukuba umntu omnye atshabalale ngenxa yabantu.

18:15b.JOH.018.015 Ke kaloku uSimon Petros wayemlandela uYesu, naye omnye umfundi. Loo mfundi ke wayesazeka kumbingeleli omkhulu, wangena noYesu entendelezweni yombingeleli omkhulu.

18:16b.JOH.018.016 UPetros ke ubemi ngasesangweni ngaphandle. Waphuma ke omnye umfundi, lowo ubesazeka kumbingeleli omkhulu, wathetha nomgcini-sango, wamngenisa uPetros.

18:17b.JOH.018.017 Sithi ngoko isicakazana esingumgcini-sango kuPetros, Ingaba nawe ungowabafundi balo mntu yini na? Athi yena, Andinguye.

18:18b.JOH.018.018 Ke kaloku kwakumi khona abakhonzi namadindala bebase umlilo wamalahle, ngokuba bekubanda; bamana besotha, waye ke uPetros emi nabo esotha.

18:19b.JOH.018.019 Umbingeleli omkhulu ngoko wambuza uYesu ngabafundi bakhe, nangayo imfundiso yakhe.

18:20b.JOH.018.020 Wamphendula uYesu wathi, Mna ndathetha ngokungafihlisiyo kulo ihlabathi; mna bendihleli ndifundisa endlwini yesikhungu nasetempileni, apho amaYuda ebesakubuthelana khona, evela kumacala onke; emfihlekweni andithethanga nto.

18:21b.JOH.018.021 Yini na ukuba ubuze kum? Buza kwabo bayivileyo into endayithetha kubo; uyabona, aba bayakwazi oko ndakuthethayo.

18:22b.JOH.018.022 Ke kaloku, akubon’ ukuba utshilo, elinye lamadindala, elalimi khona, lammonxoza uYesu, lathi, Wenjenje na ukumphendula umbingeleli omkhulu?

18:23b.JOH.018.023 Waliphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethe kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethelani na?

18:24b.JOH.018.024 UAnas wamthumela ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.

18:25b.JOH.018.025 Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha; bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela yena wathi, Andinguye.

18:26b.JOH.018.026 Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane salowo uPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna Yini na emyezweni unaye?

18:27b.JOH.018.027 Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku.

18:28b.JOH.018.028 Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; bona abangenanga endlwini yerhuluneli, ukuze bangadyobheki, ukuze bayidle ipasika.

18:29b.JOH.018.029 Waphuma ke uPilato waya kubo, wathi, Nimisa tyala lini na kuye lo mntu?

18:30b.JOH.018.030 Baphendula bathi kuye, Ukuba ebengenguye umenzi wobubi yena, singe singamnikelanga kuwe.

18:31b.JOH.018.031 Wathi ngoko uPilato kubo, Mthabatheni nina, nimgwebe ngesiko lenu. Athi ngoko amaYuda kuye, Akuvumelekile kuthi ukuba sibulale umntu;

18:32b.JOH.018.032 ukuze ilizwi likaYesu lizaliseke awalithethayo, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.

18:33b.JOH.018.033 Wabuya ngoko wangena uPilato endlwini yerhuluneli, wambiza uYesu, wathi kuye, Wena unguye na uKumkani wamaYuda?

18:34b.JOH.018.034 Umphendule uYesu, wathi, Uyithetha le nto iphuma kuwe, wayixelelwa ngabanye ngam, sini na?

18:35b.JOH.018.035 Waphendula uPilato wathi, Kanene, mna ndingumYuda na? Luhlanga lwakowenu nababingeleli abakhulu abakunikeleyo kum; wenze ntoni na?

18:36b.JOH.018.036 Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, amakhonza am ange ezama, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha.

18:37b.JOH.018.037 Wathi ke uPilato kuye, Hina ke, ungukumkani na wena? Waphendula uYesu wathi, Nawe uthi ndingukumkani Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam.

18:38b.JOH.018.038 Athi uPilato kuye, Yintoni na yona inyaniso? Akuba etshilo, wabuya waphuma waya kumaYuda, athi kuwo, Mna andifumani nalinye ityala kuye.

18:39b.JOH.018.039 Ke kaloku ninesiko lokuba ndinikhululele abe mnye ngepasika; ninga ke ndinganikhululela uKumkani wamaYuda na?

18:40b.JOH.018.040 Babuya ngoko bonke bankqangaza, besithi, Mayingabi ngulo, mayibe nguBharabhas. Waye ke uBharabhas lo esisihange.

19

19:1b.JOH.019.001 Waza ngoko uPilato wamthabatha uYesu, wamtyakatya.

19:2b.JOH.019.002 Amasoldati, eluke isithsaba ngameva, asibeka phezu kwentloko yakhe, amthi wambu ngengubo ebomvu,

19:3b.JOH.019.003 amana esithi, Aa! Kumkani wamaYuda! ammonxoza.

19:4b.JOH.019.004 Wabuya ngoko waphuma phandle uPilato; athi kubo, Yabonani, ndimzisa phandle kuni, ukuze nazi ukuba andifumani nalinye ityala kuye.

19:5b.JOH.019.005 Waphuma phandle ngoko uYesu, enxibe isithsaba sameva nengubo ebomvu; athi uPilato kubo, Nanko umntu.

19:6b.JOH.019.006 Bathe ngoko, bakumbona ababingeleli abakhulu namadindala, bankqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Mthabatheni nina, nimbethelele emnqamlezweni; kuba mna andifumani tyala kuye.

19:7b.JOH.019.007 Amphendula amaYuda athi, Thina sinomthetho; ngomthetho wethu ke ufanele ukufa, ngokuba ezenze uNyana kaThixo.

19:8b.JOH.019.008 Uthe ngoko uPilato, akuliva elo lizwi, woyika ngakumbi.

19:9b.JOH.019.009 Wabuya wangena endlwini yerhuluneli, wathi kuYesu, Ungowaphi na wena? Ke uYesu akamphendulanga.

19:10b.JOH.019.010 Athi ngoko uPilato kuye, Akuthethi na kum? Akwazi na ukuba ndinegunya lokukubethelela emnqamlezweni, nokuba ndinegunya lokukukhulula?

19:11b.JOH.019.011 Uphendule uYesu wathi, Unge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko, ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi.

19:12b.JOH.019.012 Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare; bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare.

19:13b.JOH.019.013 Elivile ngoko uPilato eli lizwi, wamzisa phandle uYesu, wahlala esihlalweni sokugweba kwindawo ekuthiwa, siSandlalo saMatye; ke ngesiHebhere yiGabhata.

19:14b.JOH.019.014 Ke kaloku kwakuyimini yokulungiselela ipasika, ilixa ke ngathi lilelesithandathu; athi kumaYuda, Nanko uKumkani wenu!

19:15b.JOH.019.015 Ke wona ankqangaza esithi, Susa, susa, mbethelele emnqamlezweni! Athi uPilato kuwo, Ndimbethelele emnqamlezweni na uKumkani wenu? Baphendula ababingeleli abakhulu bathi, Thina asinakumkani ungenguye uKesare.

19:16b.JOH.019.016 Wandula ngoko ukumnikela kubo, ukuze abethelelwe emnqamlezweni.

19:17b.JOH.019.017 Bamthabatha ke uYesu, bemka naye. Ethwele umnqamlezo wakhe, waphuma waya endaweni ekuthiwa, yeyokakayi, ekuthiwa ngesiHebhere yiGologota,

19:18b.JOH.019.018 apho bambethelela khona emnqamlezweni, nabanye naye abangabambi bebabini, ngeenxa zombini, uYesu ke ephakathi.

19:19b.JOH.019.019 Ke kaloku uPilato wabhala nombhalo, wawubeka phezu komnqamlezo. Kwaye ke kubhaliwe kwathiwa: uYesu waseNazarete, uKumkani wamaYuda.

19:20b.JOH.019.020 Loo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhaliwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma.

19:21b.JOH.019.021 Babesithi ngoko kuPilato ababingeleli abakhulu bamaYuda, Musa ukubhala uthi, UKumkani wamaYuda; bhala uthi, Wathi yena, NdinguKumkani wamaYuda.

19:22b.JOH.019.022 Waphendula uPilato wathi, Endikubhalileyo ndikubhalile.

19:23b.JOH.019.023 Athe ngoko amasoldati, xa abembethelele emnqamlezweni uYesu, azithabatha iingubo zakhe, enza izabelo ezine, laelo isoldati lanesabelo; kwanengubo yangaphantsi. Ke kaloku, ingubo yangaphantsi yabe ingenamthungo; yayilukiwe iphela, ithabathele phezulu.

19:24b.JOH.019.024 Atshono ngoko ukuthi, Masingayikrazuli, masiqashise ngayo ukuba yoba yekabani na; ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Babelana ngeengubo zam, Benza amaqashiso ngesambatho sam. Amasoldati ke ngoko azenza ezi zinto.

19:25b.JOH.019.025 Kwakumi ke ngasemnqamlezweni kaYesu unina, nomsakwabo bonina, uMariya umkaKleyopa, noMariya waseMagadala.

19:26b.JOH.019.026 UYesu ngoko, akumbona unina, naye umfundi abemthanda emi khona, uthi kuye unina, Mfazi, nanko unyana wakho!

19:27b.JOH.019.027 Andule athi kumfundi lowo, Nanko unyoko! Wathi kwakwelo lixa, umfundi lowo wamthabatha, wamsa kwikhaya lakhe.

19:28b.JOH.019.028 Emveni koko, uYesu, esazi ukuba zonke izinto sezifezekile, ukuze sifezeke isibhalo, wathi, Ndinxaniwe.

19:29b.JOH.019.029 Bekumi ke isitya sizele yiviniga; bazalisa ke bona imfunxa ngeviniga; bayibeka phezu kwehisope, bayisa emlonyeni wakhe.

19:30b.JOH.019.030 Xa ngoko uYesu wabeyamkele iviniga, wathi, Kugqityiwe! Wathoba intloko, wawunikela umoya wakhe.

19:31b.JOH.019.031 AmaYuda ngoko, ukuze imizimba ingahlali emnqamlezweni ngesabatha, ekubeni yayiyimini yokulungiselela isabatha (kuba loo sabatha ibingumhla omkhulu), acela kuPilato ukuba imilenze yabo yaphulwe, basuswe.

19:32b.JOH.019.032 Eza ngoko amasoldati, ayaphula okunene imilenze yowokuqala, neyomnye obebethelelwe emnqamlezweni naye.

19:33b.JOH.019.033 Kodwa akufika kuYesu, akubona ukuba uselefile, akayaphula imilenze yakhe.

19:34b.JOH.019.034 Lesuka elinye isoldati lamhlaba ngomkhonto ecaleni; kwaoko kwaphuma igazi namanzi.

19:35b.JOH.019.035 Nalowo ubonileyo ungqinile, nobungqina bakhe buyinyaniso; naye yena uyazi ukuba uthetha inyaniso, ukuze nani nikholwe.

19:36b.JOH.019.036 Kuba zenzeka ezi zinto, ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Akuyi kutyunyuzwa thambo lakhe.

19:37b.JOH.019.037 Kanjalo nesinye isibhalo sithi, Baya kukhangela kulowo bamhlabileyo.

19:38b.JOH.019.038 Ke kaloku emveni koko, uYosefu waseArimati (engumfundi kaYesu, ke enguye ngokufihlakeleyo ngenxa yokoyika amaYuda), wacela kuPilato, ukuba awususe umzimba kaYesu. Waza uPilato wavuma; weza ke wawususa umzimba kaYesu.

19:39b.JOH.019.039 Kwafika ke noNikodemo (lowo wezayo kuYesu ebusuku ekuqaleni), ephethe impithikezo yemore nekhala, ngathi iziiponti ezilikhulu ngobunzima.

19:40b.JOH.019.040 Bawuthabatha ke umzimba kaYesu, bawubopha ngezisongelo zelinen, ndawonye nobulawu, njengoko kulisiko lokungcwaba kumaYuda.

19:41b.JOH.019.041 Ke kaloku, bekukho kuloo ndawo abebethelelwe kuyo emnqamlezweni umyezo; nasemyezweni apho bekukho ingcwaba elitsha, ekungazanga kubekwe mntu kulo.

19:42b.JOH.019.042 UYesu ngoko bambeka khona apho, ngenxa yemini yokulungiselela kwamaYuda; ngokuba ingcwaba belikufuphi.

20

20:1b.JOH.020.001 Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, kuza engcwabeni uMariya waseMagadala kusasa, kusentsundu, alibone ilitye lisusiwe engcwabeni.

20:2b.JOH.020.002 Agidime ngoko, eze kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo ubethandwa nguYesu, athi kubo, Bayisusile iNkosi engcwabeni; asazi nalapho bayibeke khona.

20:3b.JOH.020.003 Waphuma ngoko uPetros nomnye umfundi lowo, besiya engcwabeni.

20:4b.JOH.020.004 Ke kaloku baye begidima bona bobabini kunye; waza omnye umfundi lowo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni.

20:5b.JOH.020.005 Uthi akuqondela, azibone izisongelo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa; akangenanga ke noko.

20:6b.JOH.020.006 Afike ngoko uSimon Petros emlandela, angene engcwabeni, azibone izisongelo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa;

20:7b.JOH.020.007 neqhiya ebisentlokweni yakhe, ingadibene neelinen abesongelwe kuzo, isongiwe yodwa ndaweni ithile.

20:8b.JOH.020.008 Wandula ngoko wangena nomnye umfundi, lowo ubefike kuqala engcwabeni, wabona, wakholwa;

20:9b.JOH.020.009 kuba babengekasazi isibhalo esithi, umelwe kukuthi avuke kwabafileyo.

20:10b.JOH.020.010 Babuya ngoko abafundi bagoduka.

20:11b.JOH.020.011 Ke kaloku uMariya ebemi ngaphandle ngasengcwabeni, elila; xa ke ebelila, waqondela engcwabeni.

20:12b.JOH.020.012 Wabona izithunywa zezulu ezibini, zam bethe ezimhlophe, zihleli; esinye ngasentloko, esinye ngasezinyaweni, apho wawulele khona umzimba kaYesu.

20:13b.JOH.020.013 Zithi zona kuye, Mfazi, ulilelani na? Athi kuzo; Bayisusile iNkosi yam; andazi apho bayibeke khona.

20:14b.JOH.020.014 Akutsho wajika, wambona uYesu emi; wayengazi ke ukuba nguYesu.

20:15b.JOH.020.015 Athi uYesu kuye, Mfazi, ulilelani na? ufuna bani na? Yena, esiba ngumgcini-myezo, uthi kuye, Nkosi, ukuba umsusile apha, ndixelele apho umbeke khona; mna ndiye kumthabatha.

20:16b.JOH.020.016 Athi uYesu kuye, Mariya! Wajika yena wathi kuye, Rabhoni! (oku kukuthi, Mfundisi).

20:17b.JOH.020.017 Uthi uYesu kuye, Ungandichukumisi; kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke yiya kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.

20:18b.JOH.020.018 Afike uMariya waseMagadala, ababikele abafundi ukuba uyibonile iNkosi; yathetha ezi zinto kuye.

20:19b.JOH.020.019 Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubon’ ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani. Akutsho, wababonisa izandla necala lakhe.

20:20b.JOH.020.020 Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi.

20:21b.JOH.020.021 Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina.

20:22b.JOH.020.022 Akutsho wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele;

20:23b.JOH.020.023 abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile.

20:24b.JOH.020.024 Ke kaloku uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo, wayengenabo oko wafikayo uYesu.

20:25b.JOH.020.025 Babesithi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa.

20:26b.JOH.020.026 Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe; wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubon’ ukuba zivaliwe iingcango, eme phakathi, athi, Uxolo malube nani.

20:27b.JOH.020.027 Andule athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; ethe isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo.

20:28b.JOH.020.028 Uphendule uTomas, wathi kuye, Nkosi yam, Thixo wam!

20:29b.JOH.020.029 Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko.

20:30b.JOH.020.030 Mininzi ke okunene neminye imiqondiso awayenzayo uYesu emehlweni abafundi bakhe, engabhalwanga kuyo le ncwadi;

20:31b.JOH.020.031 kodwa le ibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu, uNyana kaThixo, nokuze nithi, nikholwa, nibe nabo ubomi egameni lakhe.

21

21:1b.JOH.021.001 Emva koko waphinda uYesu wazibonakalalisa kubafundi ngaselwandle lwaseTibheriya. Wenjenje ke ukuzibonakalalisa.

21:2b.JOH.021.002 Babendawonye uSimon Petros, noTomas okuthiwa nguDidimo, noNataniyeli waseKana yelaseGalili, nabakaZebhedi, nabanye kubafundi bakhe bebabini.

21:3b.JOH.021.003 Athi uSimon Petros kubo, Ndiya kubambisa iintlanzi. Bathi kuye, Nathi siyaya nawe. Baphuma bangena emkhombeni kwaoko. Ngobo busuku ababamba nto.

21:4b.JOH.021.004 Ke kaloku, kwakuba sekusile, wema uYesu elunxwemeni; noko abafundi bebengazi ukuba nguYesu.

21:5b.JOH.021.005 Athi ngoko uYesu kubo, Bantwana, aninanto idliwayo na? Bamphendula bathi, Hayi.

21:6b.JOH.021.006 Wathi ke yena kubo, Wuphoseni umnatha ngecala lasekunene lomkhombe, nofumana. Baphosa ke; ababa saba nako ukuwutsala, ngenxa yenkitha yeentlanzi.

21:7b.JOH.021.007 Athi ngoko loo mfundi ubethandwa nguYesu kuPetros, YiNkosi. Uthe ngoko uSimon Petros, akuva ukuba yiNkosi, wabhinqa ingubo yokwaleka (kuba ebeze), waziphosa elwandle.

21:8b.JOH.021.008 Ke kaloku abanye abafundi beza ngomkhonjana (kuba bebengemgama emhlabeni, ngathi bebekubhite zimakhulu mabini), bewuzizilizisa umnatha weentlanzi.

21:9b.JOH.021.009 Bathi ngoko, bakuwelela emhlabeni, babona umlilo wamalahle ukhona, nentlanzi ikuwo, nesonka.

21:10b.JOH.021.010 Athi uYesu kubo, Zisani kwezo ntlanzi nizibambise ngokunje.

21:11b.JOH.021.011 Wangena emkhombeni uSimon Petros, wawutsalela emhlabeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamanci mahlanu anantathu; nakuba bezingako njalo, awujacekanga umnatha.

21:12b.JOH.021.012 Athi uYesu kubo, Yizani nomule. Akubangakho namnye ke kubafundi waba nabuganga bakumbuza esithi, Ungubani na? besazi nje ukuba yiyo iNkosi.

21:13b.JOH.021.013 Uza ke uYesu, asithabathe isonka, abanike, ayenjenjalo nentlanzi.

21:14b.JOH.021.014 Oku sekukokwesithathu ezibonakalalisa uYesu kubafundi bakhe, evukile kwabafileyo.

21:15b.JOH.021.015 Bathi ke bakomula, athi uYesu kuSimon Petros, Simon kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa amatakane am.

21:16b.JOH.021.016 Aphinde athi kuye okwesibini, Simon kaYona, uyandithanda na? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Yalusa izimvu zam.

21:17b.JOH.021.017 Athi kuye okwesithathu, Simon kaYona, uyandithanda na? Waba buhlungu uPetros, kuba ethe kuye okwesithathu, Uyandithanda na? Wathi kuye, Nkosi, uyazazi izinto zonke wena; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi uYesu kuye, Dlisa izimvu zam.

21:18b.JOH.021.018 Inene, inene, ndithi kuwe, Oko ubusemtsha ubuzibhinqisa ngokwakho, uhambe apho uthanda khona; kodwa xa uthe waluphala, uya kuzolula izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho ungathandiyo.

21:19b.JOH.021.019 Wakutsho ke oku, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeya kuzukisa uThixo ngako. Akutsho wathi kuye, Ndilandele.

21:20b.JOH.021.020 Ejikile ke uPetros, ubone umfundi obethandwa nguYesu elandela: lowo wayayame esifubeni sakhe esidlweni, wathi, Nkosi, ngubani na okunikelayo?

21:21b.JOH.021.021 UPetros akumbona lowo, uthi kuYesu, Nkosi, lo woba yini na?

21:22b.JOH.021.022 Athi uYesu kuye, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe? Landela mna wena.

21:23b.JOH.021.023 Laphuma ngoko eli lizwi, laya kubazalwana, ukuba loo mfundi akayi kufa. Waye uYesu engatshongo kuye ukuthi, Akayi kufa; wathi, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe?

21:24b.JOH.021.024 Nguye lo umfundi ongqinayo ngezi zinto, wazibhala ezi zinto; kanjalo siyazi ukuba ubungqina bakhe buyinene.

21:25b.JOH.021.025 Kukho ke nezinye izinto ezininzi awazenzayo uYesu; ezingathi zithe zabhalwa ngazinye, ndithi nehlabathi eli alingezibambi iincwadi ezo zingabhalwayo. Amen.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. John (Xhosa). John (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3F4-8