Matthew (Xhosa)
1
1:1b.MAT.001.001 Incwadi yomlibo wokuzalwa kukaYesu Kristu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.
1:2b.MAT.001.002 UAbraham wazala uIsake; uIsake ke wazala uYakobi; uYakobi wazala uYuda nabazalwana bakhe;
1:3b.MAT.001.003 uYuda wazala uPeretse noZera ngoTamare; uPeretse wazala uHetseron; uHetseron wazala uAram;
1:4b.MAT.001.004 uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalemon;
1:5b.MAT.001.005 uSalemon wazala uBhohazi ngoRahabhi; uBhohazi wazala uObhede ngoRute; uObhede wazala uYese;
1:6b.MAT.001.006 uYese wazala uDavide ukumkani. UDavide ke ukumkani wazala uSolomon ngobengumkaUriya;
1:7b.MAT.001.007 uSolomon wazala uRehabheham; uRehabheham wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa;
1:8b.MAT.001.008 uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Uziya;
1:9b.MAT.001.009 u-Uziya wazala uYotam; uYotam wazala uAhazi; uAhazi wazala uHezekiya;
1:10b.MAT.001.010 uHezekiya wazala uManase; uManase wazala uAmon; uAmon wazala uYosiya;
1:11b.MAT.001.011 uYosiya wazala uYekoniya nabazalwana bakhe ngexesha lokufuduselwa kwabo eBhabhilon.
1:12b.MAT.001.012 Emveni ke kokufuduselwa kwabo eBhabhilon, uYekoniya wazala uSalatiyeli; uSalatiyeli wazala uZerubhabheli;
1:13b.MAT.001.013 uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore;
1:14b.MAT.001.014 uAzore wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uYakin; uYakin wazala uElihudi;
1:15b.MAT.001.015 uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi;
1:16b.MAT.001.016 uYakobi ke wazala uYosefu, indoda kaMariya, ekuthe ngaye kwazalwa uYesu, okuthiwa nguKristu.
1:17b.MAT.001.017 Zonke izizukulwana ngoko, ezithabathela kuAbraham zizise kuDavide, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela kuDavide zizise ekufuduselweni kwabo eBhabhilon, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela ekufuduselweni kwabo eBhabhilon zizise kuKristu, zizizukulwana ezilishumi elinazine.
1:18b.MAT.001.018 Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon ukuba unina uMariya useleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele.
1:19b.MAT.001.019 Wathi ke uYosefu indoda yakhe, engolilungisa, engathandi ukumhlaza ekuhleni, wanga angamala ngasese.
1:20b.MAT.001.020 Akubon ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya oyiNgcwele.
1:21b.MAT.001.021 Uya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu; kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.
1:22b.MAT.001.022 Ke kaloku oku konke kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti, isithi,
1:23b.MAT.001.023 Yabonani, intombi le iya kumitha izale unyana, Bambize ngegama elinguImanuweli, oko kukuthi ngentetho evakalayo, uThixo unathi.
1:24b.MAT.001.024 Wathi ke uYosefu, evukile ebuthongweni, wenza ngoko besimmisele ngako isithunywa seNkosi, wamthabathela kuye umfazi wakhe;
1:25b.MAT.001.025 waza ke akamazi, wada wazala unyana wakhe wamazibulo; wambiza ke ngegama elinguYesu.
2
2:1b.MAT.002.001 Kuthe ke, akubon ukuba uYesu uzelwe eBhetelehem yelakwaYuda, emihleni kaHerode ukumkani, kwabonakala kufika eYerusalem izazi zivela empumalanga, zisithi,
2:2b.MAT.002.002 Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; size kumnqula.
2:3b.MAT.002.003 Uthe ke uHerode ukumkani, akuva, wakhathazeka, yena nayo yonke iYerusalem naye.
2:4b.MAT.002.004 Wahlanganisa ke bonke ababingeleli abakhulu nababhali babantu, wababuza ukuba ubeya kuzalelwa phi na uKristu.
2:5b.MAT.002.005 Bathe ke kuye, EBhetelehem yelakwaYuda; kuba kubhaliwe ngomprofeti kwathiwa,
2:6b.MAT.002.006 Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda, Akunguye nakanye omncinanana phakathi kwabalawuli bakwaYuda: Kuba kuwe apha kuya kuphuma uMlawuli, Onguyena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli.
2:7b.MAT.002.007 Kwakuba njalo, uHerode, ezibize ngasese izazi ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo;
2:8b.MAT.002.008 wazithuma ke eBhetelehem, wathi, Hambani niye nicokise ukubuzisa ngomntwana lowo; xa ke nithe namfumana, ze nindibikele, ukuze nam ndiye kumnqula.
2:9b.MAT.002.009 Zimvile ke zona ukumkani, zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga izandulela, yada yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo.
2:10b.MAT.002.010 Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukhulu kakhulu.
2:11b.MAT.002.011 Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zawa phantsi, zaqubuda kuye; zathi, zinqike impahla yazo, zanikela kuye iminikelo, igolide, nentlaka emhlophe, nemore.
2:12b.MAT.002.012 Zathi, kuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo.
2:13b.MAT.002.013 Zithe zakubon ukuba zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, uze ube khona apho ndide ndikuxelele; kuba uHerode uhlalele ukumfuna umntwana lowo, ukuba amtshabalalise.
2:14b.MAT.002.014 Evukile ke yena, wamthabatha umntwana nonina ebusuku, wemka waya eYiputa.
2:15b.MAT.002.015 Waba khona apho wada wabhubha uHerode; ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti isithi, Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.
2:16b.MAT.002.016 Ke kaloku uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, waza wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe, nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kuzo izazi.
2:17b.MAT.002.017 Kwandula ukuzaliseka okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti esithi,
2:18b.MAT.002.018 Kwavakala izwi eRama, Isimema nesililo nesijwili esikhulu, URakeli elilela abantwana bakhe, Engavumi ukuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho.
2:19b.MAT.002.019 Akubon ukuba ubhubhile ke uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa sisithi,
2:20b.MAT.002.020 Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana.
2:21b.MAT.002.021 Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, weza ezweni lakwaSirayeli.
2:22b.MAT.002.022 Ke kaloku, akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuhamba asinge khona; wathi ke, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kumacala elaseGalili.
2:23b.MAT.002.023 Ufike wema emzini ekuthiwa yiNazarete; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngabaprofeti, okokuba wobizwa ngokuthi ungowase Nazarete.
3
3:1b.MAT.003.001 Ke kaloku, kuthi ngaloo mihla kufike uYohane umbhaptizi, ememeza entlango yelakwaYuda, esithi,
3:2b.MAT.003.002 Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.
3:3b.MAT.003.003 Kuba lo nguye awayethetha yena uIsaya umprofeti, esithi, Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yilungiseni indlela yeNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo.
3:4b.MAT.003.004 Ke uYohane lowo ingubo yakhe ibiyeyoboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; kwaye ke ukudla kwakhe kuziinkumbi nobusi basendle.
3:5b.MAT.003.005 Babephuma oko besiya kuye abaseYerusalem, nabelakwaYuda bonke, nabommandla wonke waseYordan.
3:6b.MAT.003.006 Babhaptizwa nguye eYordan apho, bezixela izono zabo.
3:7b.MAT.003.007 Ke kaloku, akubona into eninzi yabaFarisi nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, wathi kubo, Nzalandini yamarhamba, ngubani na onibonisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?
3:8b.MAT.003.008 Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningabi nithi phakathi kwenu,
3:9b.MAT.003.009 Thina sinobawo uAbraham; kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.
3:10b.MAT.003.010 Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko yonke imithi engavelisi siqhamo sihle, iyagawulwa iphoswe emlilweni.
3:11b.MAT.003.011 Mna okunene ndinibhaptizela enguqukweni ngamanzi; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam, ozimbadada ndingakulingeneyo ukuziphatha; yena ke uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo:
3:12b.MAT.003.012 omnyazi wokwela usesandleni sakhe; uya kusicokisa kuthi tu isanda sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa yakhe, kodwa wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.
3:13b.MAT.003.013 Kuthi ngelo xa afike uYesu eYordan kuYohane, evela kwelaseGalili, ukuba abhaptizwe nguye.
3:14b.MAT.003.014 Ke kaloku uYohane wayemalela, esithi, Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, uza kum na wena?
3:15b.MAT.003.015 Uphendule ke uYesu wathi kuye, Vuma okwakaloku; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Andule ke ukumvumela.
3:16b.MAT.003.016 Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwaoko emanzini; asuka amazulu avuleka kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe, esiza phezu kwakhe.
3:17b.MAT.003.017 Nalo izwi liphuma ezulwini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.
4
4:1b.MAT.004.001 Waza uYesu wenyuswa nguMoya, wasiwa entlango, ukuba ahendwe nguMtyholi.
4:2b.MAT.004.002 Uthe akuba ezile ukudla iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, ekupheleni kwazo walamba.
4:3b.MAT.004.003 Efikile ke umhendi kuye, uthe, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.
4:4b.MAT.004.004 Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.
4:5b.MAT.004.005 Eze uMtyholi, amthabathe amse kuwo umzi ongcwele, ammise eluchochoyini lwetempile, athi ke kuye,
4:6b.MAT.004.006 Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini, Zikufukule ngezandla, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.
4:7b.MAT.004.007 Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kanjalo kwathiwa, Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho.
4:8b.MAT.004.008 Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo;
4:9b.MAT.004.009 athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum.
4:10b.MAT.004.010 Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.
4:11b.MAT.004.011 Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.
4:12b.MAT.004.012 Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili.
4:13b.MAT.004.013 Wathi esukile eNazarete, weza wahlala eKapernahum engaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali;
4:14b.MAT.004.014 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,
4:15b.MAT.004.015 Umhlaba wakwaZebhulon nomhlaba wakwaNafetali, Wendlela yaselwandle, phesheya kweYordan, WaseGalili yeentlanga,
4:16b.MAT.004.016 Abantu abo bahleli ebumnyameni Babone ukukhanya okukhulu; Nabo bahleli ezweni nasethunzini lokufa Bavelelwe kukukhanya.
4:17b.MAT.004.017 Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.
4:18b.MAT.004.018 Uthe ke uYesu, ehamba ngaselwandle lwaseGalili wabona abazalwana ababini, uSimon ekuthiwa nguPetros noAndreya, umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; kuba babengababambisi beentlanzi.
4:19b.MAT.004.019 Athi ke kubo, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.
4:20b.MAT.004.020 Bayishiya kwaoko iminatha, bamlandela ke.
4:21b.MAT.004.021 Uhambele phambili esuka apho, wabona abanye abazalwana ababini, uYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe, besemkhombeni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo; wababiza ke.
4:22b.MAT.004.022 Bawushiya kwaoko umkhombe noyise, bamlandela ke.
4:23b.MAT.004.023 Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.
4:24b.MAT.004.024 Lwaphuma ke udumo lwakhe lwaya kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abafayo, bebanjwe zizifo ngezifo naziintuthumbo ngeentuthumbo, nabaphethwe ziidemon, nabanesathuthwane, nabanedumbe, wabaphilisa ke.
4:25b.MAT.004.025 Walandelwa zizihlwele ezininzi zivela kwelaseGalili, naseDekapoli, naseYerusalem, nakwelakwaYuda, naphesheya kweYordan.
5
5:1b.MAT.005.001 Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe.
5:2b.MAT.005.002 Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi,
5:3b.MAT.005.003 Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.
5:4b.MAT.005.004 Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona.
5:5b.MAT.005.005 Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.
5:6b.MAT.005.006 Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona.
5:7b.MAT.005.007 Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona.
5:8b.MAT.005.008 Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona.
5:9b.MAT.005.009 Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona.
5:10b.MAT.005.010 Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.
5:11b.MAT.005.011 Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam.
5:12b.MAT.005.012 Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu.
5:13b.MAT.005.013 Niyityuwa yehlabathi nina; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Ayisalungele nto, kukulahlwa phandle kuphela, inyathelwe ngabantu.
5:14b.MAT.005.014 Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala;
5:15b.MAT.005.015 kananjalo abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; basibeka esiphathweni saso, sikhanyisele bonke abasendlwini.
5:16b.MAT.005.016 Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini.
5:17b.MAT.005.017 Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa.
5:18b.MAT.005.018 Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke.
5:19b.MAT.005.019 Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu.
5:20b.MAT.005.020 Kuba ndithi kuni, Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bamazulu.
5:21b.MAT.005.021 Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; wothi othe wabulala, abe sisisulu somgwebo.
5:22b.MAT.005.022 Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; othe ke, Siyathandini, woba sisisulu sesihogo somlilo.
5:23b.MAT.005.023 Ngoko xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe,
5:24b.MAT.005.024 wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho.
5:25b.MAT.005.025 Lungisana kamsinya nokumangaleleyo, usesendleleni naye; hleze ummangaleli lowo akunikele emgwebini, aze umgwebi akunikele kumsila, uze uphoswe entolongweni.
5:26b.MAT.005.026 Inene ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.
5:27b.MAT.005.027 Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi.
5:28b.MAT.005.028 Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe.
5:29b.MAT.005.029 Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
5:30b.MAT.005.030 Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
5:31b.MAT.005.031 Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana.
5:32b.MAT.005.032 Ke mna ndithi kuni, Othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza.
5:33b.MAT.005.033 Kanjalo nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungafungi buxoki; wakuthi uzifeze eNkosini izifungo zakho.
5:34b.MAT.005.034 Ke mna ndithi kuni, Maningakhe nifunge nto; nokuba lizulu, ngokuba yitrone kaThixo;
5:35b.MAT.005.035 nokuba lihlabathi eli, ngokuba sisihlalo seenyawo zakhe; nokuba yiYerusalem, ngokuba ngumzi woKumkani omkhulu.
5:36b.MAT.005.036 Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenamandla okwenza nalunye unwele lube mhlophe, nokuba lube mnyama.
5:37b.MAT.005.037 Ilizwi lenu ke malibe nguewe, ewe; nguhayi, hayi. Okugqithe koko ke kuvela kokungendawo.
5:38b.MAT.005.038 Nivile ukuba kwathiwa, Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo.
5:39b.MAT.005.039 Ke mna ndithi kuni, Maningasunduzani nokungendawo; yithi osukuba ekutywakraza esidleleni sakho sokunene, umguqulele nesinye eso.
5:40b.MAT.005.040 Nalowo ufuna ukukumangalela, akuhluthe ingubo yangaphantsi, myekele neyokwaleka.
5:41b.MAT.005.041 Nosukuba ekunyanzelela imayile enye, hamba naye zibe mbini.
5:42b.MAT.005.042 Mphe lowo ukucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungamnikeli umva.
5:43b.MAT.005.043 Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho.
5:44b.MAT.005.044 Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise;
5:45b.MAT.005.045 ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.
5:46b.MAT.005.046 Kuba xa nithe nathanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Abenzi kwaloo nto yini na nababuthi berhafu?
5:47b.MAT.005.047 Naxa nithe nabulisa abazalwana benu bodwa, yintoni na egqithiseleyo eniyenzayo? Abenjenjalo yini na nababuthi berhafu?
5:48b.MAT.005.048 Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.
6
6:1b.MAT.006.001 Lumkani, ubulungisa benu ningabenzeli ebusweni babantu, ngokunga ningabonwa ngabo; okanye, aninamvuzo kuYihlo osemazulwini.
6:2b.MAT.006.002 Ngoko, xa sukuba uliza abantu, ungahlokomisi xilongo phambi kwakho, njengoko benza ngako abahanahanisi ezindlwini zesikhungu, nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
6:3b.MAT.006.003 Ke wena, xa uliza abantu, masingazi isandla sakho sokhohlo into eyenziwa sisandla sakho sokunene,
6:4b.MAT.006.004 ukuze amalizo akho abe semfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni yena.
6:5b.MAT.006.005 Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
6:6b.MAT.006.006 Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.
6:7b.MAT.006.007 Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.
6:8b.MAT.006.008 Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli.
6:9b.MAT.006.009 Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.
6:10b.MAT.006.010 Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.
6:11b.MAT.006.011 Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla.
6:12b.MAT.006.012 Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi.
6:13b.MAT.006.013 Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.
6:14b.MAT.006.014 Kuba xa nithi nibaxolele abantu iziphoso zabo, uYihlo osemazulwini wonixolela nani.
6:15b.MAT.006.015 Xa nithi ningabaxoleli abantu iziphoso zabo, noYihlo ke akayi kunixolela iziphoso zenu.
6:16b.MAT.006.016 Xa sukuba ke nizila ukudla, maningabi njengabahanahanisi, bona bamatshekileyo; kuba babenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini ukuba bazilile. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
6:17b.MAT.006.017 Ke wena, wakuzila, yithambise intloko yakho, ubuhlambe ubuso bakho,
6:18b.MAT.006.018 ukuze ungabonakali ebantwini ukuba uzilile, ubonakale kuYihlo osemfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.
6:19b.MAT.006.019 Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe;
6:20b.MAT.006.020 ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe;
6:21b.MAT.006.021 kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
6:22b.MAT.006.022 Isibane somzimba liliso; xa sukuba iliso lakho ngoko lingenakumbi, umzimba wakho uphela wokhanyiseleka.
6:23b.MAT.006.023 Kodwa xa sukuba iliso lakho likhohlakele, umzimba wakho uphela woba bubumnyama. Ukuba ngoko ukukhanya okukuwe kububumnyama, bungakanani na ubumnyama obo!
6:24b.MAT.006.024 Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le ayithande leya, athi mhlawumbi abambelele kule ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.
6:25b.MAT.006.025 Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi nodla ntoni na; nosela ntoni na; kwanomzimba wenu, nisithi niya kwambatha ntoni na. Ubomi abungaphezulu na kuko ukudla, nomzimba awungaphezulu na kwinto yokwambatha?
6:26b.MAT.006.026 Yondelani ezintakeni zasezulwini; ngokuba azihlwayeli, azivuni, azibutheli koovimba; ukanti ke uYihlo osemazulwini uyazondla. Nina anizidlule kakhulu na?
6:27b.MAT.006.027 Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye?
6:28b.MAT.006.028 Kanjalo yini na ukuba nixhalele into yokwambatha? Gqalani iinyibiba zasendle, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta;
6:29b.MAT.006.029 ke ndithi kuni, noSolomon kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye kuzo ezi.
6:30b.MAT.006.030 Ukuba ke ingca leyo yasendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambathisa, akayi kunambathisa kakhulu ngakumbi na, bantundini balukholo luncinane?
6:31b.MAT.006.031 Musani ukuxhala ngoko, nisithi, Sodla ntoni na, sosela ntoni na, siya kwambatha ntoni na?
6:32b.MAT.006.032 Kuba zonke ezo zinto zingxanyelwe ziintlanga; kuba uYihlo wasemazulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyafuneka kuni.
6:33b.MAT.006.033 Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.
6:34b.MAT.006.034 Ngoko musani ukuxhalela ingomso; kuba ingomso liya kuxhalela okwalo. Buyanele imini leyo obayo ububi.
7
7:1b.MAT.007.001 Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa.
7:2b.MAT.007.002 Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.
7:3b.MAT.007.003 Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso?
7:4b.MAT.007.004 Okanye ungathini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nango umqadi kwelakho iliso?
7:5b.MAT.007.005 Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.
7:6b.MAT.007.006 Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile zenu phambi kweehagu, hleze zizinyathele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge.
7:7b.MAT.007.007 Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa;
7:8b.MAT.007.008 kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.
7:9b.MAT.007.009 Nguwuphi na umntu kuni ongathi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye?
7:10b.MAT.007.010 Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka?
7:11b.MAT.007.011 Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo?
7:12b.MAT.007.012 Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti.
7:13b.MAT.007.013 Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo.
7:14b.MAT.007.014 Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.
7:15b.MAT.007.015 Ke kaloku balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo.
7:16b.MAT.007.016 Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na?
7:17b.MAT.007.017 Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi.
7:18b.MAT.007.018 umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle.
7:19b.MAT.007.019 Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni.
7:20b.MAT.007.020 Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo.
7:21b.MAT.007.021 Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini.
7:22b.MAT.007.022 Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi?
7:23b.MAT.007.023 Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.
7:24b.MAT.007.024 Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo.
7:25b.MAT.007.025 Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni.
7:26b.MAT.007.026 Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo.
7:27b.MAT.007.027 Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yabetha kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ke isiwo sayo.
7:28b.MAT.007.028 Kuthe ke, xenikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa iindimbane kukufundisa kwakhe;
7:29b.MAT.007.029 kuba ebezifundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.
8
8:1b.MAT.008.001 Ke kaloku, akuhla entabeni apho, walandelwa ngabantu abaninzi.
8:2b.MAT.008.002 Nanko kusiza oneqhenqa, waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.
8:3b.MAT.008.003 Wasolula isandla uYesu, wamchukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lahlambuluka kwaoko iqhenqa lakhe.
8:4b.MAT.008.004 Athi uYesu kuye, Lumka angaxeleli bani; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze umnikelo awamisa wona uMoses, ube bubungqina kubo.
8:5b.MAT.008.005 Ke kaloku, akubon ukuba uYesu ungene eKapernahum, kweza kuye umthetheli-khulu embongoza,
8:6b.MAT.008.006 esithi, Nkosi, isicaka sam silele ngendlu, sinedumbe, sithuthunjelwa ngokoyikekayo.
8:7b.MAT.008.007 Athi uYesu kuye, Ndoza ndisiphilise mna.
8:8b.MAT.008.008 Waphendula umthetheli-khulu, wathi, Nkosi, andikulingene ukuba ude ungene phantsi kophahla lwam; thetha ilizwi lodwa, sophiliswa isicaka sam.
8:9b.MAT.008.009 Kuba nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati phantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kwisicaka sam, Yenza oku, sikwenze.
8:10b.MAT.008.010 Evile ke uYesu wamangaliswa, wathi kwabalandelayo, Inene ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.
8:11b.MAT.008.011 Ndithi ke kuni, Baninzi abaya kufika bevela empumalanga nasentshonalanga, bangqengqe ndawonye noAbraham noIsake noYakobi ebukumkanini bamazulu.
8:12b.MAT.008.012 Kodwa bona abantwana bobukumkani baya kukhutshelwa emnyameni ongaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
8:13b.MAT.008.013 Waza wathi uYesu kumthetheli-khulu, Hamba ke, makwenzeke kuwe ngokokholo lwakho. Saphiliswa kwangalo elo lixa isicaka sakhe.
8:14b.MAT.008.014 Ke kaloku uYesu wangena endlwini kaPetros, wabona umkhwekazi wakhe elele, esifa yicesina.
8:15b.MAT.008.015 Waza wachukumisa isandla sakhe, yamyeka icesina; wavuka ke, wabalungiselela.
8:16b.MAT.008.016 Kuthe ke kwakuhlwa, kwaziswa kuye into eninzi yabaphethwe ziidemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, wathi nabo bonke abafayo wabaphilisa;
8:17b.MAT.008.017 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Yena ngokwakhe wabuthabatha ubulwelwe bethu, wazithwala izifo zethu.
8:18b.MAT.008.018 Uthe ke uYesu, akubona abantu abaninzi bemphahlile, wathi makumkiwe kuyiwe ngaphesheya.
8:19b.MAT.008.019 Kweza mbhali uthile, wathi kuye, Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona.
8:20b.MAT.008.020 Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko.
8:21b.MAT.008.021 Uthe ke omnye wabafundi bakhe kuye, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.
8:22b.MAT.008.022 Wathi ke uYesu kuye, Landela mna, ubayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo.
8:23b.MAT.008.023 Engenile ke emkhombeni, bamlandela abafundi bakhe.
8:24b.MAT.008.024 Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo.
8:25b.MAT.008.025 Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, satshabalala!
8:26b.MAT.008.026 Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu.
8:27b.MAT.008.027 Bamangaliswa ke abantu abo, besithi, Ngumntu mni na lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle?
8:28b.MAT.008.028 Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela.
8:29b.MAT.008.029 Basuka bakhala besithi, Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uze kusithuthumbisa na phambi kwelona xesha?
8:30b.MAT.008.030 Bekukho ke mgama kubo ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.
8:31b.MAT.008.031 Zaye ke iidemon zimbongoza, zisithi, Ukuba uyasikhupha, sivumele siye kungena elugxubeni lweehagu oluya.
8:32b.MAT.008.032 Wathi kuzo, Yiyani. Zaphuma ke, zaya kungena elugxubeni lweehagu; lwasuka lonke ugxuba lweehagu lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zatshabalala emanzini.
8:33b.MAT.008.033 Bathe ke abo babezalusa basaba, baya ekhaya, babika into yonke, kwanendawo yababephethwe ziidemon.
8:34b.MAT.008.034 Wasuka wonke umzi waphuma, waya kumhlangabeza uYesu; bathi bakumbona, bambongoza ukuba agqithe kuloo mida yabo.
9
9:1b.MAT.009.001 Engenile ke emkhombeni, wawela, Weza kufika emzini wakowabo.
9:2b.MAT.009.002 Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. UYesu, elubona ukholo lwabo, wathi kuye onedumbe, Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho.
9:3b.MAT.009.003 Besuka ababhali abathile, bathi phakathi kwabo, Lo uyanyelisa.
9:4b.MAT.009.004 UYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezikhohlakeleyo ezintliziyweni zenu?
9:5b.MAT.009.005 Kuba okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe?
9:6b.MAT.009.006 Kodwa ukuze nazi ukuba unalo igunya emhlabeni uNyana woMntu lokuxolela izono (selesithi konedumbe), Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.
9:7b.MAT.009.007 Wavuka ke, wemka waya endlwini yakhe.
9:8b.MAT.009.008 Zikubonile ke oko izihlwele, zamangaliswa, zamzukisa uThixo, obanike abantu igunya elingaka.
9:9b.MAT.009.009 Edlula apho, uYesu wabona umntu ehleli endaweni yerhafu, okuthiwa nguMateyu; athi kuye, Ndilandele, Wesuka ke, wamlandela.
9:10b.MAT.009.010 Kwathi, akubon ukuba uhleli ngasesithebeni endlwini, kwabonakala into eninzi yababuthi berhafu naboni, yeza yahlala ndawonye noYesu nabafundi bakhe.
9:11b.MAT.009.011 Bakukubona oko abaFarisi, bathi kubafundi bakhe, Kungani na ukuba umfundisi wenu adle nababuthi berhafu naboni?
9:12b.MAT.009.012 Ekuvile ke uYesu oko, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo.
9:13b.MAT.009.013 Khaniye nifunde ukuba kukuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo; kuba andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.
9:14b.MAT.009.014 Baza bafika kuye abafundi bakaYohane, besithi, Kungani na ukuba sizile ukudla kaninzi, thina nabaFarisi, kanti bona abafundi bakho abakuzili?
9:15b.MAT.009.015 Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukukhedama, lo gama umyeni asenabo? Kodwa kuya kufika mihla awothi asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila.
9:16b.MAT.009.016 Akukho ke ubeka isiziba somchako omtsha engutyeni endala; kuba eso sifakiweyo siyakrazula engutyeni, sibe sibi ngokunye isikroba.
9:17b.MAT.009.017 Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwenjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale iintsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha, zigcinakale ezo nto zombini.
9:18b.MAT.009.018 Akubon ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, nanko kusiza umphathi, waqubuda kuye, esithi, Intombi yam ibhubhe ngoku; yiza ubeke isandla sakho phezu kwayo, yophila.
9:19b.MAT.009.019 Wesuka uYesu wamlandela, kwanabafundi bakhe.
9:20b.MAT.009.020 Nanko kusiza ntokazi ithile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini; yafika ngasemva yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe;
9:21b.MAT.009.021 kuba ibisithi ngaphakathi kwayo, Ukuba ndithe ndachukumisa ingubo yakhe nje kodwa, ndophiliswa.
9:22b.MAT.009.022 Wajika uYesu, wayibona, wathi, Ntombi yam, yomelela, ukholo lwakho lukusindisile. Yasindiswa loo ntokazi kwangelo lixa.
9:23b.MAT.009.023 Uthe akufika uYesu endlwini yomphathi, wazibona iingwali nabantu abaninzi bephithizela;
9:24b.MAT.009.024 athi kubo, Khwelelani; kuba intombazana ayifile, ilele. Basuka bamwa ngentsini.
9:25b.MAT.009.025 Uthe ke bakukhutshelwa phandle abantu, wangena, wayibamba ngesandla, yaza yavuka intombazana leyo.
9:26b.MAT.009.026 Lwaza lwaphuma udumo lwale nto, lwaya kuwo wonke loo mhlaba.
9:27b.MAT.009.027 Kuthe ke akuba edlula apho uYesu, walandelwa ziimfama ezimbini, zidanduluka, zisithi, Senzele inceba, nyana kaDavide.
9:28b.MAT.009.028 Zithe, akungena ke endlwini, zeza kufika kuye iimfama; athi kuzo uYesu, Niyakholwa na ukuba ndinako ukukwenza oko? Zithe kuye, Ewe, Nkosi.
9:29b.MAT.009.029 Wandula ukuwachukumisa amehlo azo, esithi, Ngokokholo lwenu makwenzeke kuni.
9:30b.MAT.009.030 Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingaziwa mntu le nto.
9:31b.MAT.009.031 Kodwa zona zaphuma, zalubhengeza udumo lwakhe kuwo wonke loo mhlaba.
9:32b.MAT.009.032 Ke kaloku zakubon ukuba ziyaphuma, kwabonakala kuziswa kuye umntu osisidenge, ophethwe yidemon.
9:33b.MAT.009.033 Kwathi, yakukhutshwa idemon, sathetha isidenge; zamangaliswa izihlwele, zisithi, Akuzanga kubonwe okunje kwaSirayeli.
9:34b.MAT.009.034 Ke bona abaFarisi babesithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.
9:35b.MAT.009.035 Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.
9:36b.MAT.009.036 Wathi, akuzibona izihlwele, wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi.
9:37b.MAT.009.037 Aze athi kubafundi bakhe, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa.
9:38b.MAT.009.038 Khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.
10
10:1b.MAT.010.001 Waza wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika igunya koomoya abangcolileyo, ukuze babakhuphe, nelokuphilisa izifo nezikhuhlane zonke.
10:2b.MAT.010.002 Amagama ke abapostile abo balishumi elinababini ngawo la: owokuqala, uSimon ekuthiwa nguPetros, noAndreya umzalwana wakhe; uYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe; uFilipu noBhartolomeyu;
10:3b.MAT.010.003 uTomas noMateyu, umbuthi werhafu; uYakobi ka-Alifeyu, noLebheyu, ogama limbi linguTadeyu;
10:4b.MAT.010.004 uSimon umKanan noYuda Sikariyoti, lowo wamngcatshayo.
10:5b.MAT.010.005 Abo bashumi linababini wabathuma uYesu, akuba ebayalile, wathi, Ze ningasingi endleleni yeentlanga, ningangeni nasemzini wamaSamariya;
10:6b.MAT.010.006 yiyani ke kanye kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.
10:7b.MAT.010.007 Ekuhambeni kwenu ke vakalisani, nisithi, Ubukumkani bamazulu busondele.
10:8b.MAT.010.008 Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkele ngesisa, yiphani ngesisa.
10:9b.MAT.010.009 Ningaziqwebeli golide nasilivere nalubhedu emibhinqweni yenu;
10:10b.MAT.010.010 nangxowa yandlela, nangubo zangaphantsi ngambini, nambadada, namsimelelo; kuba umsebenzi ufanelwe kukudla kwakhe.
10:11b.MAT.010.011 Emzini ke enithe nangena kuwo, nokuba kusemzaneni, ize nibuzise ukuba ngubani na kuwo ofanelekileyo; nihlale ke khona apho nide nimke.
10:12b.MAT.010.012 Ekungeneni kwenu ke endlwini, ize niyibulise.
10:13b.MAT.010.013 Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni.
10:14b.MAT.010.014 Nothe akawamkela, akaweva amazwi enu, nakuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu.
10:15b.MAT.010.015 Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.
10:16b.MAT.010.016 Yabonani, mna ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nibe njengamahobe ukungabi nabuqhinga.
10:17b.MAT.010.017 Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu;
10:18b.MAT.010.018 naye ke niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga.
10:19b.MAT.010.019 Xa sukuba ke beninikela, ize ningaxhaleli ukuba nothetha ngakuphi na, nokuba nothetha ntoni na; kuba niya kunikwa ngelo lixa oko nothetha khona.
10:20b.MAT.010.020 Kuba asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu.
10:21b.MAT.010.021 Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana; bathi nabantwana basuke phezu kwabazali bababulalisise;
10:22b.MAT.010.022 niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; ke onyamezelayo kwada kwaba kwasekupheleni, uya kusindiswa yena.
10:23b.MAT.010.023 Xa sukuba ke benitshutshisa kuloo mzi, sabelani kuwumbi; kuba inene ndithi kuni, Aniyi kukha niyigqibe imizi yakwaSirayeli, engekafiki uNyana woMntu.
10:24b.MAT.010.024 Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, akukho mkhonzi mkhulu kunenkosi yakhe.
10:25b.MAT.010.025 Kumanele umfundi ukuba abe njengomfundisi wakhe, nomkhonzi ukuba abe njengenkosi yakhe. Ukuba umninindlu bambize ngoBhelezebhule, akukhona bobabiza ngaye yini na abo bendlu yakhe?
10:26b.MAT.010.026 Musani ukuboyika ngoko; kuba akukho nto igutyungelweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa.
10:27b.MAT.010.027 Oko ndikuthetha kuni emnyameni, kuxeleni emhlotsheni; noko nikuvayo endlebeni, kumemezeni phezu kwezindlu.
10:28b.MAT.010.028 Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo.
10:29b.MAT.010.029 Abathengiswa ngepeni na oongqatyana ababini? Kanti akuyi kuwa namnye kubo emhlabeni ngaphandle koYihlo.
10:30b.MAT.010.030 Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.
10:31b.MAT.010.031 Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.
10:32b.MAT.010.032 Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini.
10:33b.MAT.010.033 Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini.
10:34b.MAT.010.034 Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; andize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele.
10:35b.MAT.010.035 Kuba ndize kubambanisa umntu noyise, intombi nonina, umolokazana noninazala.
10:36b.MAT.010.036 Zaye iintshaba zomntu ziya kuba ngabendlu yakhe.
10:37b.MAT.010.037 Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna.
10:38b.MAT.010.038 Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna.
10:39b.MAT.010.039 Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana.
10:40b.MAT.010.040 Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo.
10:41b.MAT.010.041 Lowo wamkela umprofeti egameni lomprofeti, uya kwamkela umvuzo womprofeti; nalowo wamkela ilungisa egameni lelungisa, uya kwamkela umvuzo welungisa.
10:42b.MAT.010.042 Nothe waseza noko amnye waba bangabona bancinane indebe yodwa yamanzi abandayo egameni lomfundi, inene ndithi kuni, akayi kukha alahlekelwe ngumvuzo wakhe.
11
11:1b.MAT.011.001 Kwathi, xeshikweni uYesu ebegqibile ukubamisela abafundi bakhe abalishumi elinababini, wesuka apho waya kufundisa nokushumayela emizini yabo.
11:2b.MAT.011.002 Ke kaloku uYohane, eyive esentolongweni imisebenzi kaKristu, wesusa bababini kubafundi bakhe,
11:3b.MAT.011.003 wathi kuye, Wena ungulowo uzayo na, silinde wumbi, kusini na?
11:4b.MAT.011.004 Waphendula uYesu wathi kubo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizivayo nenizibonileyo:
11:5b.MAT.011.005 iimfama zibuya zibone, neziqhwala ziyahamba; abaneqhenqa bayahlanjululwa, nezithulu ziyeva; abafileyo bayavuswa, namahlwempu aya zishunyayezwa iindaba ezilungileyo.
11:6b.MAT.011.006 Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.
11:7b.MAT.011.007 Bakubon ukuba bayemka abo, waqala uYesu wathi kwizihlwele ngaye uYohane, Naye niphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yabe iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya?
11:8b.MAT.011.008 Naye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo bambatha ezitofotofo baba sezindlwini zookumkani bona.
11:9b.MAT.011.009 Naye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti.
11:10b.MAT.011.010 Kuba lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa, Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho, Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.
11:11b.MAT.011.011 Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.
11:12b.MAT.011.012 Kususela ke kwimihla kaYohane umbhaptizi kude kube kalokunje, ubukumkani bamazulu buyagonyamelwa, bathi abagonyameli babuthimbe.
11:13b.MAT.011.013 Kuba bonke abaprofeti nomthetho baprofeta kwada kwakho uYohane.
11:14b.MAT.011.014 Kananjalo ukuba niyavuma ukukwamkela oko, yena nguEliya, lo bekuthiwa uza kufika.
11:15b.MAT.011.015 Lowo uneendlebe zokuva makeve.
11:16b.MAT.011.016 Ke kaloku ndiya kusifanisa nantoni na esi sizukulwana? Sifana namakhwenkwana ehleli ezindaweni zembutho, ekhwaza abalingane bawo,
11:17b.MAT.011.017 esithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina anambambazela.
11:18b.MAT.011.018 Kuba uYohane weza engadli, engaseli, basuka bathi, Unedemon.
11:19b.MAT.011.019 UNyana woMntu yena weza esidla, esela, basuka bathi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni. Ubulumko bugwetyelwe kokuvela ebantwaneni babo.
11:20b.MAT.011.020 Waza waqala ukuyidubula loo mizi yayenzeke kuyo inkoliso yemisebenzi yakhe yamandla, ngokuba ingaguqukanga, esithi,
11:21b.MAT.011.021 Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, inge yaguquka kudala loo mizi ngeengubo ezirhwexayo nangothuthu.
11:22b.MAT.011.022 Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka kwiTire nakwiTsidon ngomhla womgwebo kunani.
11:23b.MAT.011.023 Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoselwa phantsi kwelabafileyo; ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuwe, ukuba yayenzeke eSodom, inge ihleli kwada kwaba namhla.
11:24b.MAT.011.024 Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom ngomhla womgwebo kunawe.
11:25b.MAT.011.025 Ngelo xesha waphendula uYesu wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yamazulu nehlabathi, ngokuba ezi zinto wazifihlayo kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana;
11:26b.MAT.011.026 ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka phambi kwakho ukuba kube njalo.
11:27b.MAT.011.027 Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho umaziyo uNyana, kuphela nguYise; akukho umaziyo uYise, kuphela nguNyana, nalowo athi uNyana athande ukumtyhilela.
11:28b.MAT.011.028 Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.
11:29b.MAT.011.029 Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.
11:30b.MAT.011.030 Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.
12
12:1b.MAT.012.001 Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini ngesabatha; baye ke abafundi bakhe belambile, baqala ukukha izikhwebu, badla.
12:2b.MAT.012.002 Ke kaloku abaFarisi, bakukubona oko, bathi kuye, Yabona, abafundi bakho benza oko kungavumelekileyo ukwenziwa ngesabatha.
12:3b.MAT.012.003 Wathi ke kubo, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye;
12:4b.MAT.012.004 okokuba wangena endlwini kaThixo, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekube kungavumelekile ukuba azidle yena, kwanabo babenaye, kuvumelekele ababingeleli bodwa?
12:5b.MAT.012.005 Anilesanga na emthethweni, ukuba ngesabatha ababingeleli etempileni bayayingcolisa isabatha, bangazeki tyala noko?
12:6b.MAT.012.006 Ndithi ke kuni, omkhulu kunayo itempile ukho apha.
12:7b.MAT.012.007 Ukuba ke nibe nikwazile ukuba kuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo, ninge ningabagwebanga abangenatyala.
12:8b.MAT.012.008 Kuba uNyana woMntu uyiNkosi yayo nesabatha.
12:9b.MAT.012.009 Esukile ke apho, waya kungena endlwini yabo yesikhungu.
12:10b.MAT.012.010 Kwabonakala kukho umntu owome isandla; baza bambuza, besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele.
12:11b.MAT.012.011 Wathi ke kubo, Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?
12:12b.MAT.012.012 Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabetha.
12:13b.MAT.012.013 Aze athi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke, saba kwanjengesinye.
12:14b.MAT.012.014 Bathi ke abaFarisi babhunga ngaye bakuphuma, ukuze bamtshabalalise.
12:15b.MAT.012.015 Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka, apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke.
12:16b.MAT.012.016 Wabakhalimela ukuba bangamtyhili;
12:17b.MAT.012.017 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,
12:18b.MAT.012.018 Yabonani, umkhonzi wam endimnyulileyo; Intanda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam; Ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe, Waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo.
12:19b.MAT.012.019 Akayi kuphika, akayi kunkqangaza, Akukho mntu uya kuliva izwi lakhe ezitratweni.
12:20b.MAT.012.020 Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula, Nomsonto oqhumayo akayi kuwucima, Ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo;
12:21b.MAT.012.021 Kanjalo ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga.
12:22b.MAT.012.022 Kwaza kwaziswa kuye ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge; wamphilisa, wada lowo uyimfama usisidenge wathetha, wabona nokubona.
12:23b.MAT.012.023 Zathi nqa ke zonke izihlwele, zathi, Ngunyana kaDavide kanti na lo?
12:24b.MAT.012.024 Kodwa bona abaFarisi, bakuva, bathi, Lo yena akazikhuphi iidemon, kuphela kungoBhelezebhule, umphathi weedemon.
12:25b.MAT.012.025 Uthe ke uYesu, ezazi iingcingane zabo, wathi kubo, Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza, nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayisayi kuma.
12:26b.MAT.012.026 Ukuba ke uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; bothini na ngoko ukuma ubukumkani bakhe?
12:27b.MAT.012.027 Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? Ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona.
12:28b.MAT.012.028 Kodwa ukuba ndizikhupha iidemon ngoMoya kaThixo mna, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.
12:29b.MAT.012.029 Angathini na umntu ukuba nako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha, andule ke ukuyiphanga indlu yalo?
12:30b.MAT.012.030 Lowo kum uchasene nam, nalowo ungandibuthisiyo uyachithachitha.
12:31b.MAT.012.031 Ngenxa yoko ndithi kuni, Konke ukona nokunyelisa bokuxolelwa abantu; kodwa khona ukumnyelisa uMoya oyiNgcwele abasayi kukuxolelwa abantu.
12:32b.MAT.012.032 Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa yena, nakweli phakade, nakwelo lizayo.
12:33b.MAT.012.033 Wenzeni mhle umthi, nesiqhama sawo sibe sihle; nithi mhlawumbi niwenze mbi umthi, nesiqhamo sawo sibe sibi; kuba umthi waziwa ngesiqhamo sawo.
12:34b.MAT.012.034 Nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuba nako ukuthetha izinto ezilungileyo, nikhohlakele nje? Kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
12:35b.MAT.012.035 Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, ukhupha izinto ezilungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo, ukhupha izinto ezikhohlakeleyo.
12:36b.MAT.012.036 Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo;
12:37b.MAT.012.037 kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa.
12:38b.MAT.012.038 Kwaza kwaphendula abathile bakubabhali nabaFarisi, besithi, Mfundisi, singa singabona umqondiso uvela kuwe.
12:39b.MAT.012.039 Waphendula ke wathi kubo, Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; ke asiyi kunikwa mqondiso, ungenguwo umqondiso kaYona umprofeti.
12:40b.MAT.012.040 Kuba, njengokuba uYona ebemini ntathu nabusuku buthathu esiswini sentlanzi enkulu, kwangokunjalo, uNyana woMntu woba mini ntathu nabusuku buthathu embilinini womhlaba.
12:41b.MAT.012.041 Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ke omkhulu kunoYona nanku apha.
12:42b.MAT.012.042 Ukumkanikazi welasezantsi uya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.
12:43b.MAT.012.043 Xa uthe ke waphuma umoya ongcolileyo emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla, ungakufumani.
12:44b.MAT.012.044 Uze uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo; uthi ke wakufika uyifumane ize, itshayelwe, ivathisiwe.
12:45b.MAT.012.045 Wandule ke ukuya uthabathe uze nabanye oomoya, abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene beme khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe; kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.
12:46b.MAT.012.046 Akubon ukuba usathetha neendimbane ezo, kwathi thaphu unina nabazalwana bakhe, bema ngaphandle, befuna ukuthetha naye.
12:47b.MAT.012.047 Wathi ke othile kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho, bemi ngaphandle, befuna ukuthetha nawe.
12:48b.MAT.012.048 Uphendule ke wathi kulowo ubemxelele, Ngubani na uma? Kanjalo ngoobani na abazalwana bam?
12:49b.MAT.012.049 Esolule isandla sakhe phezu kwabafundi bakhe, uthe, Nanku uma nabazalwana bam;
12:50b.MAT.012.050 kuba osukuba ekwenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini, yena lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.
13
13:1b.MAT.013.001 Ke kaloku, kwangaloo mini waphuma uYesu endlwini, waya wahlala ngaselwandle.
13:2b.MAT.013.002 Kwahlanganisana kuye abantu abaninzi, wada yena wangena emkhombeni, wahlala phantsi; zathi zonke izihlwele zema elunxwemeni.
13:3b.MAT.013.003 Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela.
13:4b.MAT.013.004 Ekuhlwayeleni kwakhe inxalenye yeenkozo yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba.
13:5b.MAT.013.005 Ezinye ke zawa ezindaweni ezilulwalwa, apho bezingenamhlaba mninzi; zaphuma ke kwaoko, ngenxa yokuba bezingenabunzulu bamhlaba;
13:6b.MAT.013.006 zathi ke lakuphuma ilanga zatsha, zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela.
13:7b.MAT.013.007 Ezinye ke zawa emithaneni enameva, yaza imithana enameva yakhula yaziminxa.
13:8b.MAT.013.008 Ezinye ke zawa kuwo wona umhlaba omhle, zanika iziqhamo, olunye lwanika ikhulu, olunye amashumi amathandathu, nolunye amashumi amathathu.
13:9b.MAT.013.009 Lowo uneendlebe zokuva makeve.
13:10b.MAT.013.010 Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso?
13:11b.MAT.013.011 Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga.
13:12b.MAT.013.012 Kuba osukuba enako, yena uya kuphiwa, aze abe nako ngokugqithiseleyo; kodwa osukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.
13:13b.MAT.013.013 Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso; ngokuba bebona nje bengaboni, besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda.
13:14b.MAT.013.014 Sizalisekele kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi, Ukuva niya kuva, ningakhe niqonde; Nithi nibona nje nibone, ningakhe niqiqe;
13:15b.MAT.013.015 Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba, Beva ngeendlebe ezithe nkqi, Bayawacima namehlo abo; Hleze babone ngamehlo, Beve ngeendlebe, Baqonde ngentliziyo, Bajike, Ndibaphilise.
13:16b.MAT.013.016 Kodwa nina, anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva.
13:17b.MAT.013.017 Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenelayo ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuziva izinto enizivayo, abaziva.
13:18b.MAT.013.018 Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli:
13:19b.MAT.013.019 akubon ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; lo nguye lowo wahlwayelwa ngasendleleni.
13:20b.MAT.013.020 Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo;
13:21b.MAT.013.021 abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko.
13:22b.MAT.013.022 Lowo ke uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi, lithi ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.
13:23b.MAT.013.023 Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; othi yena okunene axakathe iziqhamo; omnye ke enze ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.
13:24b.MAT.013.024 Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe.
13:25b.MAT.013.025 Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka.
13:26b.MAT.013.026 Ithe ke yakudubula, yakuba neenkozo, wandula ukubonakala nomdiza.
13:27b.MAT.013.027 Bezile ke abakhonzi bomninindlu, bathi kuye, Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle yini na entsimini yakho? Phofu iwuzuze phi na umdiza?
13:28b.MAT.013.028 Wathi ke kubo, Ngumntu olutshaba owenze le nto. Bathi ke abakhonzi kuye, Uyathanda na ke ukuba siye siwubuthe?
13:29b.MAT.013.029 Uthe ke, Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo.
13:30b.MAT.013.030 Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni; ngexa ke lokuvuna ndothi kubavuni, Buthani kuqala umdiza, niwubophe ube zizithungu, utshiswe, kodwa yona ingqolowa yihlanganiseleni kuvimba wam.
13:31b.MAT.013.031 Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe;
13:32b.MAT.013.032 lona loluncinane okunene kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo.
13:33b.MAT.013.033 Wathetha omnye umzekeliso kubo, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela.
13:34b.MAT.013.034 Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; akathethanga kungengamzekeliso kuzo;
13:35b.MAT.013.035 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam, Ndiya kukhupha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi.
13:36b.MAT.013.036 Waza uYesu akuzindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi.
13:37b.MAT.013.037 Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu;
13:38b.MAT.013.038 intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; umdiza ke ngoonyana bongendawo;
13:39b.MAT.013.039 utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu.
13:40b.MAT.013.040 Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo, kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade.
13:41b.MAT.013.041 UNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho;
13:42b.MAT.013.042 zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
13:43b.MAT.013.043 Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
13:44b.MAT.013.044 Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi.
13:45b.MAT.013.045 Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile ezintle;
13:46b.MAT.013.046 owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga.
13:47b.MAT.013.047 Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa kwiintlobo zonke;
13:48b.MAT.013.048 abathe wakuzala bawurholela elunxwemeni; ke bakuhlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi.
13:49b.MAT.013.049 Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa,
13:50b.MAT.013.050 zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
13:51b.MAT.013.051 Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi.
13:52b.MAT.013.052 wathi ke kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufa na nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala.
13:53b.MAT.013.053 Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho.
13:54b.MAT.013.054 Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla?
13:55b.MAT.013.055 Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akuthiwa na nguMariya? Nabazalwana bakhe asingooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na?
13:56b.MAT.013.056 Noodade bakhe abakuthi apha bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto?
13:57b.MAT.013.057 Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akaswele mbeko, kungekhona kowabo, nakokwabo.
13:58b.MAT.013.058 Akenza misebenzi mininzi yamandla khona apho, ngenxa yokungakholwa kwabo.
14
14:1b.MAT.014.001 Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waluva udaba lukaYesu,
14:2b.MAT.014.002 wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi. Yena uvukile kwabafileyo; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyasebenza kuye.
14:3b.MAT.014.003 Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe.
14:4b.MAT.014.004 Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye.
14:5b.MAT.014.005 Wathi efuna ukumbulala, woyika abantu; ngokuba babebambe ukuthi ungumprofeti.
14:6b.MAT.014.006 Ke kaloku, kwakubon ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa esazulwini, yamkholisa uHerode.
14:7b.MAT.014.007 Ekuthe ke koko wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo.
14:8b.MAT.014.008 Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.
14:9b.MAT.014.009 Wesuka ukumkani waba buhlungu; ke, ngenxa yezifungo ezo nangenxa yabo babehleli ngasesithebeni naye, watsho ukuthi mayiyinikwe.
14:10b.MAT.014.010 Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho.
14:11b.MAT.014.011 Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina.
14:12b.MAT.014.012 Bafika abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu.
14:13b.MAT.014.013 Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa. Zivile ke izihlwele, zamlandela ngeenyawo, zivela emizini.
14:14b.MAT.014.014 Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo.
14:15b.MAT.014.015 Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, zimke ziye emizaneni, zizithengele ukudla.
14:16b.MAT.014.016 Uthe ke kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye.
14:17b.MAT.014.017 Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.
14:18b.MAT.014.018 Wathi ke yena, Ziziseni kum apha.
14:19b.MAT.014.019 Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni; wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waqhekeza, wazinika abafundi izonka ezo; ke abafundi banika izihlwele.
14:20b.MAT.014.020 Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, zalishumi elinazibini izitya zizele.
14:21b.MAT.014.021 Ke kaloku abo babesidla babengamadoda akumawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
14:22b.MAT.014.022 Waza uYesu wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye phesheya, lo gama azindululayo izihlwele yena.
14:23b.MAT.014.023 Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa.
14:24b.MAT.014.024 Ke kaloku umkhombe ubuseluphakathi kolwandle, untsilwa ngamaza; kuba umoya ubuvela ngaphambili.
14:25b.MAT.014.025 Kuthe ke ngowesine umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle.
14:26b.MAT.014.026 Bathe bakumbona abafundi ehamba phezu kolwandle, bakhathazeka, besithi, Ngumshologu; bakhaliswa kukoyika.
14:27b.MAT.014.027 Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim, musani ukoyika.
14:28b.MAT.014.028 UPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.
14:29b.MAT.014.029 Wathi ke yena, Yiza. Ehlile uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu.
14:30b.MAT.014.030 Ke kaloku, ebona umoya unamandla, woyika; waza eqala ukutshona wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise.
14:31b.MAT.014.031 Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na?
14:32b.MAT.014.032 Bakungena emkhombeni, wadamba umoya.
14:33b.MAT.014.033 Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo.
14:34b.MAT.014.034 Bakuwela, bafika emhlabeni waseGenesarete.
14:35b.MAT.014.035 Emazile amadoda aloo ndawo, athumela kuwo wonke loo mmandla.
14:36b.MAT.014.036 Bazisa kuye bonke abafayo, bambongoza ukuba bachukumise nje kodwa intshinga yengubo yakhe; baza bonke abayichukumisayo baphiliswa kanye.
15
15:1b.MAT.015.001 Bafike oko kuYesu abaseYerusalem ababhali nabaFarisi, besithi,
15:2b.MAT.015.002 Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? Kuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka.
15:3b.MAT.015.003 Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu?
15:4b.MAT.015.004 Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela okubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa.
15:5b.MAT.015.005 Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile: akasayi kuba sambeka uyise nokuba ngunina.
15:6b.MAT.015.006 Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu.
15:7b.MAT.015.007 Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi,
15:8b.MAT.015.008 Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, Bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; Kanti intliziyo yabo ikude lee kum;
15:9b.MAT.015.009 Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.
15:10b.MAT.015.010 Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani, niqonde.
15:11b.MAT.015.011 Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu.
15:12b.MAT.015.012 Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo zwi bakhubeka?
15:13b.MAT.015.013 Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa.
15:14b.MAT.015.014 Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini.
15:15b.MAT.015.015 Waphendula ke uPetros wathi kuye, Sixelele lo mzekeliso.
15:16b.MAT.015.016 Wathi ke yena uYesu, Anikabi nakuqonda na nani nangoku?
15:17b.MAT.015.017 Anikaqiqi na, ukuba konke okungena emlonyeni kusinga esiswini, ize kulahlelwe endaweni esese?
15:18b.MAT.015.018 Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zizo ezo ezimenza inqambi umntu.
15:19b.MAT.015.019 Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa.
15:20b.MAT.015.020 Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu.
15:21b.MAT.015.021 Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon.
15:22b.MAT.015.022 Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. Akamphendula ke nelizwi eli.
15:23b.MAT.015.023 Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule, ngokuba usilandela ekhala.
15:24b.MAT.015.024 Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa.
15:25b.MAT.015.025 Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndisize.
15:26b.MAT.015.026 Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.
15:27b.MAT.015.027 Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.
15:28b.MAT.015.028 Waza ke waphendula uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe njengokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa.
15:29b.MAT.015.029 Esukile apho, uYesu weza ngaselwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi khona.
15:30b.MAT.015.030 Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa;
15:31b.MAT.015.031 zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli.
15:32b.MAT.015.032 Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuthi ke ndibandulule bengadlanga andikuthandi, hleze batyhafe endleleni.
15:33b.MAT.015.033 Bathi kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apha izonka ezingade zihluthise izihlwele ezingakanana?
15:34b.MAT.015.034 Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzana ezimbalwa.
15:35b.MAT.015.035 Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni.
15:36b.MAT.015.036 Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele.
15:37b.MAT.015.037 Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe zizele.
15:38b.MAT.015.038 Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amane amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
15:39b.MAT.015.039 Ezindulule izihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.
16
16:1b.MAT.016.001 Baza bafika abaFarisi nabaSadusi, bathi, bemlinga, bacela ukuba ababonise umqondiso ophuma emazulwini.
16:2b.MAT.016.002 Waphendula ke wathi kubo, Ngokuhlwa nithi, Liya kusa; kuba izulu limlilo ukuba bomvu.
16:3b.MAT.016.003 Kanjalo kusasa nithi, Namhla luqhwithela; kuba izulu limlilo ukuba bomvu, lisibekele. Bahanahanisindini, nikwazi nje ukubucalula ubuso bezulu, ke yona imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula?
16:4b.MAT.016.004 Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Wabashiya wemka.
16:5b.MAT.016.005 Bakufika ke abafundi bakhe ngaphesheya, bathi kanti bakulibele ukuphatha izonka.
16:6b.MAT.016.006 Wathi ke uYesu kubo, Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi.
16:7b.MAT.016.007 Baye ke bona becamanga phakathi kwabo, besithi, Utsho ngokuba singaphathanga zonka.
16:8b.MAT.016.008 Ekwazi ke oko uYesu, wathi kubo, Ehlani, nina balukholo luncinane! Yini na ukuba nicamange phakathi kwenu, ngokuba ningaphathanga zonka?
16:9b.MAT.016.009 Anikaqiqi na, anizikhumbuli na izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nokuba zazingaphi na izitya enazithabathayo?
16:10b.MAT.016.010 Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amane, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo?
16:11b.MAT.016.011 Yini na le nto ningaqiqiyo, ukuba bendingatsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi?
16:12b.MAT.016.012 Bandula ukuqonda, ukuba ubengatsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi.
16:13b.MAT.016.013 Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu?
16:14b.MAT.016.014 Bathi ke bona, Inxenye ithi, unguYohane umbhaptizi; abanye bathi, UnguEliya; bambi bathi, UnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti.
16:15b.MAT.016.015 Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na?
16:16b.MAT.016.016 Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu, unyana kaThixo ophilileyo.
16:17b.MAT.016.017 Waphendula uYesu wathi kuye, Unoyolo, Simon kaYona, ngokuba akukutyhilelwanga oku yinyama negazi, ukutyhilelwe nguBawo osemazulwini.
16:18b.MAT.016.018 Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa.
16:19b.MAT.016.019 Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini.
16:20b.MAT.016.020 Wabayala abafundi bakhe, ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguYesu uKristu.
16:21b.MAT.016.021 Waqalela kwelo xa uYesu ukubabonisa abafundi bakhe, okokuba umelwe kukuba aye eYerusalem, eve ubunzima obukhulu kuwo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu, nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu avuke.
16:22b.MAT.016.022 Wathi uPetros emthabathele kuye, waqala ukumkhalimela, esithi, Makube camagu kuwe Nkosi; oko akuyi kukha kubekho kuwe.
16:23b.MAT.016.023 Wajika ke wathi kuPetros, Suka uye emva kwam, Sathana, usisikhubekiso kum; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu.
16:24b.MAT.016.024 Wandula wathi uYesu kubafundi bakhe, Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.
16:25b.MAT.016.025 Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowufumana.
16:26b.MAT.016.026 Kuba, kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?
16:27b.MAT.016.027 Kuba uNyana woMntu uza kuza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe, andule ukubavuza bonke ngabanye ngokokwenza kwabo.
16:28b.MAT.016.028 Inene, ndithi kuni, Kwabemiyo apha kukho abangayi kukha beve kufa, bade bambone uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe.
17
17:1b.MAT.017.001 Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros, noYakobi, noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ephakamileyo bebodwa.
17:2b.MAT.017.002 Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya.
17:3b.MAT.017.003 Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye.
17:4b.MAT.017.004 Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; ukuba uyathanda, masenze apha iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.
17:5b.MAT.017.005 Kuthe esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nalo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.
17:6b.MAT.017.006 Bathi abafundi, bakukuva oko, bawa ngobuso babo, boyika kakhulu.
17:7b.MAT.017.007 Akufika uYesu wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki.
17:8b.MAT.017.008 Bathe ke bakuphakamisa amehlo abo, ababona mntu, yanguYesu yedwa.
17:9b.MAT.017.009 Bakubon ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu.
17:10b.MAT.017.010 Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci?
17:11b.MAT.017.011 Uphendule ke uYesu, wathi kubo, Okunene kufika uEliya tanci, abuye azimise zonke izinto.
17:12b.MAT.017.012 Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo.
17:13b.MAT.017.013 Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.
17:14b.MAT.017.014 Bakubon ukuba bafikile esihlweleni, kweza kuye umntu, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi,
17:15b.MAT.017.015 Nkosi, menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, esiva ubunzima obukhulu; kuba esiwa futhi emlilweni, nasemanzini futhi.
17:16b.MAT.017.016 Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, ababa nako ukumphilisa.
17:17b.MAT.017.017 Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha.
17:18b.MAT.017.018 Waza uYesu wayikhalimela, yaphuma kuye idemon; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.
17:19b.MAT.017.019 Bandula beza abafundi kuYesu bebodwa, bathi, Bekungani na ukuba singabi nako ukuyikhupha thina?
17:20b.MAT.017.020 Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.
17:21b.MAT.017.021 Olu ke lona uhlobo aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
17:22b.MAT.017.022 Ke kaloku, bakubon ukuba bahleli kwelaseGalili, wathi uYesu kubo, UNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu;
17:23b.MAT.017.023 baya kumbulala, athi ngomhla wesithathu avuke. Baba buhlungu kakhulu.
17:24b.MAT.017.024 Ke, bakubon ukuba bafikile eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela imali yetempile, bathi, Umfundisi wenu akayirholi na imali yetempile?
17:25b.MAT.017.025 Athi, Ewe, uyayirhola. Akungena endlwini, uYesu wamphangela, esithi, Uthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? koonyana babo, kwabasemzini, kusini na?
17:26b.MAT.017.026 Athi uPetros kuye, Kwabasemzini. Wathi uYesu kuye, Bakhululekile ngoko ke bona oonyana.
17:27b.MAT.017.027 Kodwa ukuze singabakhubekisi, hamba uye elwandle, uphose umlobothi wakho, uthabathe loo ntlanzi ithe yavela tanci. Wothi wakuwunqika umlomo wayo, ufumane ishekele; thabatha yona leyo ubanike, usenzelelela mna nawe.
18
18:1b.MAT.018.001 Ngelo lixa beza abafundi kuYesu, besithi, Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu?
18:2b.MAT.018.002 UYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo.
18:3b.MAT.018.003 Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.
18:4b.MAT.018.004 Osukuba ngoko ethe wazithoba njengalo mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu.
18:5b.MAT.018.005 Kanjalo othe wamkela umntwana onje, noko amnye, egameni lam, wamkela mna.
18:6b.MAT.018.006 Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ebelungelwe kanye kukuba anxitywe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzulwini yolwandle.
18:7b.MAT.018.007 Yeha ihlabathi ngezikhubekiso! kuba azinakuba zingezi izikhubekiso; kodwa yeha loo mntu siza ngaye isikhubekiso!
18:8b.MAT.018.008 Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade.
18:9b.MAT.018.009 Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, lincothule, ulilahle; kukulungele ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.
18:10b.MAT.018.010 Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.
18:11b.MAT.018.011 Kuba uNyana woMntu weza kusindisa oko kulahlekileyo.
18:12b.MAT.018.012 Nithini na nina? Ukuba umntu uthe wanekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezimashumi asithoba anesithoba ezintabeni, aye afune leyo ilahlekileyo?
18:13b.MAT.018.013 Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba, zingalahlekanga.
18:14b.MAT.018.014 Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane.
18:15b.MAT.018.015 Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho.
18:16b.MAT.018.016 Ke ukuba uthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu.
18:17b.MAT.018.017 Ukuba ke uthe akabeva, xelela ibandla; ukuba ke uthe akaliva nebandla, kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.
18:18b.MAT.018.018 Inene, ndithi kuni, Konke enithe nakubopha emhlabeni, kobotshwa emazulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kokhululwa emazulwini.
18:19b.MAT.018.019 Kanjalo ndithi kuni, Ukuba ababini kuni bathe bavumelana emhlabeni apha ngeendawo zonke abangazicelayo, bozenzelwa nguBawo osemazulwini.
18:20b.MAT.018.020 Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.
18:21b.MAT.018.021 Kwandula kweza uPetros kuye wathi, Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela? Koda kube kasixhenxe na?
18:22b.MAT.018.022 Athi uYesu kuye, Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe.
18:23b.MAT.018.023 Ngenxa yoko ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owafuna ukubalelana nabakhonzi bakhe.
18:24b.MAT.018.024 Kuthe ke akuqala ukubalelana nabo, kwaziswa kuye omnye onetyala leetalente ezingamawaka alishumi.
18:25b.MAT.018.025 Kuthe ke ekubeni engenanto yakuhlawula, yathi inkosi yakhe, makuthengiswe ngaye, nangomfazi wakhe, nangabantwana bakhe, nangeento zonke anazo, kuhlawulwe.
18:26b.MAT.018.026 Wawa phantsi ngoko umkhonzi lowo, waqubuda kuyo, esithi, Nkosi, khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke.
18:27b.MAT.018.027 Yasikwa ke yimfesane inkosi yaloo mkhonzi, yamkhulula, yamxolela ityala elo.
18:28b.MAT.018.028 Uphumile ke loo mkhonzi, wafumanana nomnye wabakhonza kunye naye obenetyala kuye leedenariyo ezilikhulu; wambamba, wamkrwitsha, esithi, Ndihlawule ityala onalo.
18:29b.MAT.018.029 Wawa phantsi ngoko ezinyaweni zakhe lo ubekhonza kunye naye, wamana embongoza, esithi, Khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke.
18:30b.MAT.018.030 Akavumanga ke; waya wamphosa entolongweni, ade alihlawule ityala elo.
18:31b.MAT.018.031 Bathi ke abo babekhonza kunye naye, bakubona oko kwenzekileyo, baba buhlungu kakhulu, beza bayityela inkosi yabo konke oko kwenzekileyo.
18:32b.MAT.018.032 Yaza inkosi yakhe, imbizele kuyo, yathi kuye, Mkhonzindini ungendawo, ndakuxolela lonke elaa tyala, ekubeni wandibongo zayo;
18:33b.MAT.018.033 ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kokhonza kunye nawe, njengokuba nam bendinenceba kuwe?
18:34b.MAT.018.034 Yaqumba inkosi yakhe, yamnikela kubathuthumbisi, ade alihlawule lonke ityala lakhe kuyo.
18:35b.MAT.018.035 Wothi noBawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu.
19
19:1b.MAT.019.001 Kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, wanduluka kwelaseGalili, weza emideni yelakwaYuda, phesheya kweYordan.
19:2b.MAT.019.002 Zamlandela izihlwele ezininzi, waziphilisa apho.
19:3b.MAT.019.003 Kweza kuye abaFarisi bemlinga, besithi kuye, Kuvumelekile na ukuba umntu amale umfazi wakhe nangasiphi na isizathu?
19:4b.MAT.019.004 Uphendule ke wathi kubo, Anilesanga na ukuba owadalayo kwasekuqalekeni wabadala bayindoda nenkazana,
19:5b.MAT.019.005 wathi, Ngenxa yoko umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe, baze abo babini babe nyama-nye?
19:6b.MAT.019.006 Ngako oko abasebabini, banyama-nye; oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.
19:7b.MAT.019.007 Bathi kuye, Phofu ibiyini na ukuba uMoses awise umthetho wokuthi, makamnike incwadi yokwahlukana, amale?
19:8b.MAT.019.008 Athi kubo, UMoses ngenxa yobulukhuni beentliziyo zenu wanivumela ukuba nibale abafazi benu; ke ekuqalekeni bekungenjalo.
19:9b.MAT.019.009 Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; nalowo uzeka owaliweyo uyakrexeza.
19:10b.MAT.019.010 Bathi kuye abafundi bakhe, Ukuba unjalo umcimbi womntu nomfazi, akulungile ukuzeka.
19:11b.MAT.019.011 Wathi ke yena kubo, Asibantu bonke abaliqondayo elo lizwi; ngabo banikiweyo bodwa.
19:12b.MAT.019.012 Kuba kukho amathenwa azelwe enjalo kwasesizalweni sonina; kukho namathenwa athenwa ngabantu; kukho namathenwa azithenileyo ngenxa yobukumkani bamazulu. Lowo unokukuqonda oku makakuqonde.
19:13b.MAT.019.013 Kwaza kwaziswa kuye abantwana, ukuze abeke izandla phezu kwabo, athandaze; basuka abafundi babakhalimela.
19:14b.MAT.019.014 Wathi ke uYesu, Bayekeni abantwana, ningabaleli ukuza kum; kuba ubukumkani bamazulu bobabo banjalo.
19:15b.MAT.019.015 Wazibeka izandla phezu kwabo, wemka apho.
19:16b.MAT.019.016 Kwabonakala kusiza othile, wathi kuye, Mfundisi ulungileyo, yiyiphi na into elungileyo endingenza yona, ukuze ndibe nabo ubomi?
19:17b.MAT.019.017 Uthe ke kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Ukuba ke uthanda ukungena ebomini, yigcine imithetho.
19:18b.MAT.019.018 Athi kuye, Yiphi na? Wathi ke uYesu, Yona le: uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki,
19:19b.MAT.019.019 beka uyihlo nonyoko; nawo lo: uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako.
19:20b.MAT.019.020 Ithi kuye indodana leyo, Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam; ndisaswele ntoni na?
19:21b.MAT.019.021 Wathi uYesu kuyo, Ukuba unga ungafezeka, hamba uye kuthengisa ngeempahla zakho, uphe amahlwempu, woba nobutyebi emazulwini; uze ke undilandele.
19:22b.MAT.019.022 Ilivile ke indodana ilizwi elo, yemka ibuhlungu; kuba ibinemfuyo eninzi.
19:23b.MAT.019.023 Wathi ke uYesu kubafundi bakhe, Inene, ndithi kuni, Koba ngenkankulu ukuba isityebi singene ebukumkanini bamazulu.
19:24b.MAT.019.024 Kananjalo ke ndithi kuni, Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.
19:25b.MAT.019.025 Bakuva ke abafundi bakhe, bakhwankqiswa kakhulu, besithi, Ngubani na ke ongasindiswayo?
19:26b.MAT.019.026 Ondele ke uYesu, wathi kubo, Kubantu le nto ayinakwenzeka; ke kuye uThixo zonke izinto zinako ukwenzeka.
19:27b.MAT.019.027 Waphendula uPetros wathi kuye, Uyabona, thina sishiye iinto zonke sakulandela; siya kuba nantoni na ke?
19:28b.MAT.019.028 Wathi ke uYesu kubo, Inene, ndithi kuni, Nina nindilandeleyo, ekuzalweni okutsha, xa athe wahlala uNyana woMntu phezu kwetrone yozuko lwakhe, niya kuhlala nani phezu kweetrone ezilishumi elinambini, nigweba ezizweni ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.
19:29b.MAT.019.029 Umntu wonke oshiye izindlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela kalikhulu, abudle ilifa ubomi obungunaphakade.
19:30b.MAT.019.030 Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.
20
20:1b.MAT.020.001 Kuba ubukumkani bamazulu bufana nomntu ongumninindlu, owaphuma ekuseni, waya kuqesha abasebenzi bokuya esidiliyeni sakhe.
20:2b.MAT.020.002 Akuvumelana nabasebenzi ngedenariyo ngemini, wabathuma esidiliyeni sakhe.
20:3b.MAT.020.003 Ephume malunga nelixa lesithathu wabona abanye bemi endaweni yembutho bengasebenzi.
20:4b.MAT.020.004 Wathi nakwabo, Hambani nani niye esidiliyeni, ndoninika okusukuba kufanelekile. Bahamba ke baya.
20:5b.MAT.020.005 Wabuya waphuma malunga nelixa lesithandathu nelesithoba, wenza kwangokunjalo.
20:6b.MAT.020.006 Ephumile ke malunga nelixa leshumi elinanye, wafumana abanye bemi bengasebenzi; athi kubo, Yini na ukuba nime apha imini iphela ningasebenzi?
20:7b.MAT.020.007 Bathi kuye, Akukho bani usiqeshileyo. Athi kubo, Hambani nani niye esidiliyeni; niya kwamkela okusukuba kufanelekile.
20:8b.MAT.020.008 Kwakuhlwa, uthi umninisidiliya egoseni lakhe, Babize abasebenzi, ubamkelise, uqala kwabokugqibela ude uye kwabokuqala.
20:9b.MAT.020.009 Bezile abo bebeqeshwe malunga nelixa leshumi elinanye, bamkela elowo idenariyo.
20:10b.MAT.020.010 Ke kaloku bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into engaphezulu; nabo bamkela elowo idenariyo.
20:11b.MAT.020.011 Beyamkele ke, bamrokrela umninindlu,
20:12b.MAT.020.012 besithi, Aba bokugqibela basebenze ilixa lalinye, usuke wabalinganisa nathi, thina sithwele ubunzima nobushushu bemini.
20:13b.MAT.020.013 Waphendula ke yena wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na?
20:14b.MAT.020.014 Thabatha okwakho uhambe; ndithanda ukumnika lowo wokugqibela kwanjengoko ndikunike ngako.
20:15b.MAT.020.015 Akuvumelekile na ukuba ndenze endikuthandayo ngokukokwam? Iliso lakho likhohlakele na, ngokuba ndilungile mna?
20:16b.MAT.020.016 Ngokunjalo abokugqibela baya kuba ngabokuqala, nabokuqala, baya kuba ngabokugqibela; kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.
20:17b.MAT.020.017 Ke kaloku enyuka uYesu esiya eYerusalem, wabathabatha abafundi abalishumi elinababini babodwa endleleni, wathi kubo,
20:18b.MAT.020.018 Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem, waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubo ababingeleli abakhulu nababhali. Baya kumgweba ukuba afe,
20:19b.MAT.020.019 bamnikele kuzo iintlanga ukuba zidlale ngaye, zimtyakatye, zimbethelele emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
20:20b.MAT.020.020 Ngelo xesha kweza kuye unina woonyana bakaZebhedi, enoonyana bakhe, equbuda, ecela into kuye.
20:21b.MAT.020.021 Wathi ke yena kuye, Uthanda ntoni na? Athi kuye, Yitsho baze aba nyana bam bobabini bahlale, omnye ngasekunene kwakho, omnye ngasekhohlo, ebukumkanini bakho.
20:22b.MAT.020.022 Uphendule ke uYesu wathi, Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiza kuyisela mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi kuye, Sinako.
20:23b.MAT.020.023 Athi kubo. Okunene indebe yam niya kuyisela, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukuhlala ngasekunene kum, nangasekhohlo kum, asikwam ukupha ngako; kophiwa abo kulungiselwe bona nguBawo.
20:24b.MAT.020.024 Bekuvile ke oko abalishumi, babacaphukela abo bazalwana bobabini.
20:25b.MAT.020.025 Ke kaloku uYesu, ebabizele kuye, wathi, Niyazi ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nabo bazizikhulu benza ngegunya kuzo.
20:26b.MAT.020.026 Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;
20:27b.MAT.020.027 nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkonzi wenu;
20:28b.MAT.020.028 kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
20:29b.MAT.020.029 Bakubon ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu.
20:30b.MAT.020.030 Nanko kuhleli iimfama zimbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.
20:31b.MAT.020.031 Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.
20:32b.MAT.020.032 Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na?
20:33b.MAT.020.033 Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu.
20:34b.MAT.020.034 Wasikwa ke yimfesane uYesu, wawachukumisa amehlo azo; zaba nokubona kwaoko ngamehlo azo, zamlandela.
21
21:1b.MAT.021.001 Kuthe, xa babesondele eYerusalem, befikile eBhetefage, kwiNtaba yemiNquma, uYesu wesusa abafundi bababini,
21:2b.MAT.021.002 esithi kubo, Yiyani emzaneni lo ukhangelene nani; kwaoko nofumana iesile libotshelelwe linethole, likhululeni nilizise kum.
21:3b.MAT.021.003 Nokuba kukho othe wathetha into kuni, nothi, Ayafuneka eNkosini; wothi ke awathumele kwaoko.
21:4b.MAT.021.004 Ke kaloku oku konke kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi,
21:5b.MAT.021.005 Yithini kwintombi uZiyon, Yabona, uKumkani wakho uza kuwe, Enobulali, ekhwele e-esileni, ilithole ke, Inkonyana yento ebotshwayo.
21:6b.MAT.021.006 Baya ke abafundi, benza ngoko wayebamisele ngako uYesu,
21:7b.MAT.021.007 balizisa iesile nethole, babeka iingubo zabo phezu kwawo, bamhlalisa phezu kwazo.
21:8b.MAT.021.008 Yathi ke inkoliso yezihlwele yazandlala iingubo zayo endleleni; baye abanye bexhuzula amasebe emithini, bewandlala endleleni.
21:9b.MAT.021.009 Zaye ke izihlwele, ebezihamba ngaphambili nebezilandela, zidanduluka, zisithi, Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!
21:10b.MAT.021.010 Akungena eYerusalem, wonke umzi wazamazama, usithi, Ngubani na lo?
21:11b.MAT.021.011 Bathi ke abantu, Lo nguYesu, umprofeti ongowaseNazarete yelaseGalili.
21:12b.MAT.021.012 Wangena uYesu etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabananisi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe;
21:13b.MAT.021.013 athi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.
21:14b.MAT.021.014 Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa.
21:15b.MAT.021.015 Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye unyana kaDavide: basuka bacaphuka,
21:16b.MAT.021.016 bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele udumiso?
21:17b.MAT.021.017 Wabashiya, waphumela ngaphandle komzi, waya eBhetani, walala khona.
21:18b.MAT.021.018 Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba.
21:19b.MAT.021.019 Wathi, ebone mkhiwane uthile ngasendleleni, waya kuwo, akafumana nto kuwo, yangamagqabi odwa; athi kuwo, Makungaze kuvele siqhamo kuwe naphakade. Wasuka woma kwaoko umkhiwane lowo.
21:20b.MAT.021.020 Bakukubona oko abafundi, bamangaliswa, besithi, Utheni na ukoma msinya kangakanana umkhiwane?
21:21b.MAT.021.021 Waphendula ke uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; kosuka, nokuba nithe kule ntaba, Thabatheka uphoseke elwandle, kwenzeke.
21:22b.MAT.021.022 Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela.
21:23b.MAT.021.023 Kuthe akungena etempileni, xa afundisayo, beza kuye ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu, besithi, Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? Kananjalo ngubani na okunike eli gunya?
21:24b.MAT.021.024 Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto:
21:25b.MAT.021.025 Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na, emazulwini, ebantwini, sini na? Bacamanga ke bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
21:26b.MAT.021.026 Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, soyika abantu; kuba bonke bebambe ukuthi uYohane ungumprofeti.
21:27b.MAT.021.027 Bamphendula uYesu bathi, Asazi. Wathi naye kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
21:28b.MAT.021.028 Nithini na ke nina? Umntu wayenabantwana ababini; weza kowokuqala wathi, Mntwana wam, yiya kusebenza namhla esidiliyeni sam.
21:29b.MAT.021.029 Waphendula ke yena wathi, Andiyi; ke wabuya wazohlwaya, waya.
21:30b.MAT.021.030 Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; akaya.
21:31b.MAT.021.031 Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise? Bathi kuye, Ngowokuqala. Athi kubo uYesu, Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi.
21:32b.MAT.021.032 Ngokuba uYohane weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bakholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye.
21:33b.MAT.021.033 Yivani omnye umzekeliso. Bekukho umninindlu othile owatyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye.
21:34b.MAT.021.034 Kuthe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso.
21:35b.MAT.021.035 Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye.
21:36b.MAT.021.036 Wabuya wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo.
21:37b.MAT.021.037 Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.
21:38b.MAT.021.038 Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani simbulale, sihlale nelifa lakhe.
21:39b.MAT.021.039 Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala.
21:40b.MAT.021.040 Xa athe weza ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi?
21:41b.MAT.021.041 Bathi kuye, uya kubatshabalalisa kakubi abangendawo abo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo.
21:42b.MAT.021.042 Athi kubo uYesu, Anizanga nilese na ezibhalweni ukuthi, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; Kwavela eNkosini oku, Kungummangaliso emehlweni ethu?
21:43b.MAT.021.043 Ngenxa yoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo.
21:44b.MAT.021.044 Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola.
21:45b.MAT.021.045 Bathi ababingeleli abakhulu nabaFarisi, bakuyiva imizekeliso yakhe, baqonda ukuba uthetha ngabo.
21:46b.MAT.021.046 Bathi befuna ukumbamba, boyika abantu, ekubeni ke babebambe ukuthi ungumprofeti.
22
22:1b.MAT.022.001 Waphendula uYesu, wabuya wathetha kubo ngemizekeliso, esithi,
22:2b.MAT.022.002 Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe.
22:3b.MAT.022.003 Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka abavuma ukuza.
22:4b.MAT.022.004 Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni.
22:5b.MAT.022.005 Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe.
22:6b.MAT.022.006 Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala.
22:7b.MAT.022.007 Evile ke ukumkani, waqumba, wayikhupha imikhosi yakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo.
22:8b.MAT.022.008 Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile.
22:9b.MAT.022.009 Yiyani ngoko ezintlanganweni zeendlela, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni.
22:10b.MAT.022.010 Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanayo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo.
22:11b.MAT.022.011 Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho.
22:12b.MAT.022.012 Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenayo ingubo yomsitho? Lamkhohla ke.
22:13b.MAT.022.013 Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
22:14b.MAT.022.014 Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.
22:15b.MAT.022.015 Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe.
22:16b.MAT.022.016 Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu.
22:17b.MAT.022.017 Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na?
22:18b.MAT.022.018 Ke kaloku, eyazi uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini?
22:19b.MAT.022.019 Ndiboniseni iqhosha lerhafu. Bamzisela ke idenariyo.
22:20b.MAT.022.020 Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo?
22:21b.MAT.022.021 Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo.
22:22b.MAT.022.022 Bakuva bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka.
22:23b.MAT.022.023 Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, abathi akukho luvuko; bambuza,
22:24b.MAT.022.024 besithi, Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.
22:25b.MAT.022.025 Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe.
22:26b.MAT.022.026 Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe.
22:27b.MAT.022.027 Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi.
22:28b.MAT.022.028 Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? Kuba babenaye bonke.
22:29b.MAT.022.029 Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo.
22:30b.MAT.022.030 Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.
22:31b.MAT.022.031 Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi,
22:32b.MAT.022.032 Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo.
22:33b.MAT.022.033 Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe.
22:34b.MAT.022.034 Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye.
22:35b.MAT.022.035 Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi,
22:36b.MAT.022.036 Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na?
22:37b.MAT.022.037 Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.
22:38b.MAT.022.038 Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho.
22:39b.MAT.022.039 Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
22:40b.MAT.022.040 Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.
22:41b.MAT.022.041 Bakubon ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wabuza kubo,
22:42b.MAT.022.042 esithi, Nithini na nina ngaye uKristu? Ungunyana kabani na? Bathi kuye, KaDavide.
22:43b.MAT.022.043 Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi,
22:44b.MAT.022.044 Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?
22:45b.MAT.022.045 Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, ungunyana wakhe ngani na?
22:46b.MAT.022.046 Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.
23
23:1b.MAT.023.001 Waza uYesu wathetha kwisihlwele nakubafundi bakhe,
23:2b.MAT.023.002 esithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses.
23:3b.MAT.023.003 Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi.
23:4b.MAT.023.004 Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo.
23:5b.MAT.023.005 Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ngokunga bangabonwa ngabantu; bawenze banzi amaqhaga abo ezikhumbuzo, bayandise imiqukumbelo yeengubo zabo.
23:6b.MAT.023.006 Kananjalo bathanda izilili zobukhulu ezidlweni, kwanezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu,
23:7b.MAT.023.007 nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa ngabantu kuthiwe, Rabhi, Rabhi.
23:8b.MAT.023.008 Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana.
23:9b.MAT.023.009 Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini.
23:10b.MAT.023.010 Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu.
23:11b.MAT.023.011 Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu.
23:12b.MAT.023.012 Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nosukuba ezithoba uya kuphakanyiswa.
23:13b.MAT.023.013 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene.
23:14b.MAT.023.014 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; ngenxa yoko niya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.
23:15b.MAT.023.015 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze nokuba mnye ongena ebuYudeni; nithi, xa athe wazuzeka, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani.
23:16b.MAT.023.016 Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala.
23:17b.MAT.023.017 Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na?
23:18b.MAT.023.018 Kanjalo nina nithi, Othe wafunga isibingelelo, akunto oko; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwaso, unetyala.
23:19b.MAT.023.019 Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na?
23:20b.MAT.023.020 Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso.
23:21b.MAT.023.021 Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo.
23:22b.MAT.023.022 Nalowo uwafungayo amazulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo.
23:23b.MAT.023.023 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nedile nekumin, kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi.
23:24b.MAT.023.024 Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, ke baginye inkamela.
23:25b.MAT.023.025 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ke ngaphakathi kuzele kukuphanga nokungazeyisi.
23:26b.MAT.023.026 MFarisindini uyimfama, hlambulula tanci okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze kuthi okungaphandle kwazo kuhlambuluke nako.
23:27b.MAT.023.027 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nifana namangcwaba aqatywe ifutha, athi abonakale emahle okunene ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nokungcola konke.
23:28b.MAT.023.028 Ngokukwanjalo nani ngaphandle okunene nibonakala kubantu ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasene nomthetho.
23:29b.MAT.023.029 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa,
23:30b.MAT.023.030 nithi, Ukuba sasikho thina ngemihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti.
23:31b.MAT.023.031 Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti.
23:32b.MAT.023.032 Wuzaliseni kambe nani umlinganisela wooyihlo.
23:33b.MAT.023.033 Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuwusaba umgwebo wesihogo?
23:34b.MAT.023.034 Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; niya kuthi inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni, nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi;
23:35b.MAT.023.035 ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni apha, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBherekiya, enambulalela phakathi kwendawo engcwele nesibingelelo.
23:36b.MAT.023.036 Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana.
23:37b.MAT.023.037 Yerusalem, Yerusalem, wena ubabulalayo abaprofeti, ubagibisele ngamatye abo bathunywe kuwe, kufuthi kangakanani na ndithande ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma!
23:38b.MAT.023.038 Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize.
23:39b.MAT.023.039 Kuba ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.
24
24:1b.MAT.024.001 Ephumile uYesu, wemka etempileni; bathe abafundi bakhe beza kumbonisa izakhiwo zetempile.
24:2b.MAT.024.002 Wathi ke uYesu kubo, Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
24:3b.MAT.024.003 Ke kaloku, akubon ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?
24:4b.MAT.024.004 Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu.
24:5b.MAT.024.005 Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu, balahlekise into eninzi.
24:6b.MAT.024.006 Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho.
24:7b.MAT.024.007 Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.
24:8b.MAT.024.008 Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba.
24:9b.MAT.024.009 Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.
24:10b.MAT.024.010 Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane.
24:11b.MAT.024.011 Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi.
24:12b.MAT.024.012 Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi.
24:13b.MAT.024.013 Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.
24:14b.MAT.024.014 Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.
24:15b.MAT.024.015 Xa ke ngoko nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (olesayo makaqiqe),
24:16b.MAT.024.016 ngelo xesha mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni.
24:17b.MAT.024.017 Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe;
24:18b.MAT.024.018 nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe.
24:19b.MAT.024.019 Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!
24:20b.MAT.024.020 Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi khona ebusika nangesabatha.
24:21b.MAT.024.021 Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo.
24:22b.MAT.024.022 Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa.
24:23b.MAT.024.023 Ngelo xesha, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukuholwa.
24:24b.MAT.024.024 Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo.
24:25b.MAT.024.025 Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili.
24:26b.MAT.024.026 Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, Nanko emagumbini, musani ukukholwa.
24:27b.MAT.024.027 Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu.
24:28b.MAT.024.028 Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.
24:29b.MAT.024.029 Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe.
24:30b.MAT.024.030 Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.
24:31b.MAT.024.031 Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo.
24:32b.MAT.024.032 Wufundeni ke umzekeliso kuwo umkhiwane: xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo.
24:33b.MAT.024.033 Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.
24:34b.MAT.024.034 Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho.
24:35b.MAT.024.035 Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi am akasayi kudlula.
24:36b.MAT.024.036 Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa; azazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa.
24:37b.MAT.024.037 Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu.
24:38b.MAT.024.038 Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, bengaqondanga,
24:39b.MAT.024.039 wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu.
24:40b.MAT.024.040 Ngelo xesha ababini boba sentsimini, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe.
24:41b.MAT.024.041 Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe.
24:42b.MAT.024.042 Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu.
24:43b.MAT.024.043 Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe.
24:44b.MAT.024.044 Ngenxa yoko yibani nilungile nani, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.
24:45b.MAT.024.045 Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo?
24:46b.MAT.024.046 Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo.
24:47b.MAT.024.047 Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.
24:48b.MAT.024.048 Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam ilibele,
24:49b.MAT.024.049 ayizi, aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke, asele nabanxilayo,
24:50b.MAT.024.050 iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo, nangelixa angalaziyo,
24:51b.MAT.024.051 imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
25
25:1b.MAT.025.001 Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni.
25:2b.MAT.025.002 Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha.
25:3b.MAT.025.003 Ezo ziziziyatha zaphatha izibane zazo, azaphatha oli nazo;
25:4b.MAT.025.004 kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo.
25:5b.MAT.025.005 Ke kaloku, akubon ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala.
25:6b.MAT.025.006 Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela.
25:7b.MAT.025.007 Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo.
25:8b.MAT.025.008 Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo, ngokuba izibane zethu zicima.
25:9b.MAT.025.009 Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi, hleze inganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele.
25:10b.MAT.025.010 Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango.
25:11b.MAT.025.011 Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, nkosi, sivulele.
25:12b.MAT.025.012 Yaphendula ke yona yathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina.
25:13b.MAT.025.013 Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.
25:14b.MAT.025.014 Kuba kunjengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye, wabiza abakhe abakhonzi, wayinikela kubo impahla yakhe.
25:15b.MAT.025.015 Wathi omnye wamnika iitalente zantlanu, omnye zambini, nomnye yaba nye, walowo wanikwa ngokwawakhe amandla; wahambela kwelinye kwaoko.
25:16b.MAT.025.016 Lowo ke wamkela iitalente ezintlanu, waya wasebenza ngazo, wenza esinye isihlanu seetalente.
25:17b.MAT.025.017 Kwangokunjalo nalowo wamkela ezimbini, naye wazuza esinye isibini.
25:18b.MAT.025.018 Ke naye lowo wamkela yanye, waya wemba emhlabeni, wayifihla imali yenkosi yakhe.
25:19b.MAT.025.019 Ithi ke emveni kwexesha elikhulu, ifike inkosi yabo bakhonzi, ibalelane nabo.
25:20b.MAT.025.020 Weza lowo wamkela iitalente ezintlanu, wazisa esinye isihlanu seetalente, esithi, Nkosi, wandinika iitalente zantlanu; khangela, ndizuze esinye isihlanu seetalente phezu kwazo.
25:21b.MAT.025.021 Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi, ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.
25:22b.MAT.025.022 Weza ke nalowo wamkela iitalente ezimbini, wathi, Nkosi, wandinika iitalente zambini; khangela, ndizuze esinye isibini seetalente phezu kwazo.
25:23b.MAT.025.023 Yathi kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.
25:24b.MAT.025.024 Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelanga khona, ubuthe apho ungelelanga khona;
25:25b.MAT.025.025 ndasuka ndoyika, ndaya ndayiselela italente yakho ngomhlaba; nanku unako okwakho.
25:26b.MAT.025.026 Yaphendula ke inkosi yakhe yathi kuye, Mkhonzindini ukhohlakeleyo, ulivila, ubusazi nje ukuba ndivuna apho ndingahlwayelanga khona, ndibuthe apho ndingelelanga khona,
25:27b.MAT.025.027 ubumelwe kukuthi ngoko ube ubuyibeke imali yam kubananisi, ndaza ndakufika mna, ndabuya ndakuzuza okwam kunenzala.
25:28b.MAT.025.028 Mhlutheni ngoko italente leyo, niyinike lowo uneetalente ezilishumi.
25:29b.MAT.025.029 Kuba wonke umntu onako Uya kunikwa, abe nako ngokugqithiseleyo; ke ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.
25:30b.MAT.025.030 Naye umkhonzi ongancedi lutho, mkhupheleni ebumnyameni obungaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
25:31b.MAT.025.031 Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe;
25:32b.MAT.025.032 zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni;
25:33b.MAT.025.033 athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo.
25:34b.MAT.025.034 Uya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi;
25:35b.MAT.025.035 kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini;
25:36b.MAT.025.036 ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.
25:37b.MAT.025.037 Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza?
25:38b.MAT.025.038 Sakubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uze, sakwambesa?
25:39b.MAT.025.039 Sakubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe?
25:40b.MAT.025.040 Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.
25:41b.MAT.025.041 Uya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa uMtyholi nezithunywa zakhe.
25:42b.MAT.025.042 Kuba ndalamba, anandipha kudla; ndanxanwa, anandiseza;
25:43b.MAT.025.043 ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini; ndandize, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela.
25:44b.MAT.025.044 Boza ke bamphendule nabo, besithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, okanye unxaniwe, okanye ungowasemzini, okanye uze, okanye usifa, okanye usentolongweni, asakulungiselela?
25:45b.MAT.025.045 Aze abaphendule, esithi, Inene ndithi kuni, Ekubeni ningenjanga njalo nakumnye waba bangabona bancinane, anenjanga njalo nakum.
25:46b.MAT.025.046 Baya kumka aba baye elubethweni olungunaphakade; ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.
26
26:1b.MAT.026.001 Kwathi, xa ebewagqibile uYesu onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe,
26:2b.MAT.026.002 Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika, aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
26:3b.MAT.026.003 Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa;
26:4b.MAT.026.004 babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale.
26:5b.MAT.026.005 Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu.
26:6b.MAT.026.006 Ke kaloku, akubon ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa,
26:7b.MAT.026.007 kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wawagalela phezu kwentloko yakhe, akubon ukuba uhleli ngasesithebeni.
26:8b.MAT.026.008 Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho?
26:9b.MAT.026.009 Kuba la mafutha ngekuthengiswe lukhulu ngawo, kwaza kwaphiwa amahlwempu.
26:10b.MAT.026.010 Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? Kuba usebenze kum umsebenzi omhle.
26:11b.MAT.026.011 Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; kodwa mna anihleli ninam.
26:12b.MAT.026.012 Kuba la mafutha aqholiweyo, yena ewathululele emzimbeni wam nje, wenzele ukungcwatywa kwam.
26:13b.MAT.026.013 Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
26:14b.MAT.026.014 Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu,
26:15b.MAT.026.015 wathi, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Bammisela ke amaqhosha esilivere amashumi mathathu.
26:16b.MAT.026.016 Waza kwalapho wafuna ithuba elilungileyo lokuze amnikele kubo.
26:17b.MAT.026.017 Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ufuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika?
26:18b.MAT.026.018 Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kuwe ipasika nabafundi bam.
26:19b.MAT.026.019 Abafundi benza ke ngoko uYesu abebayaleze ngako, bayilungisa ipasika.
26:20b.MAT.026.020 Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini.
26:21b.MAT.026.021 Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, Omnye kuni aba uya kundingcatsha.
26:22b.MAT.026.022 Baza, bebuhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim yini na, Nkosi?
26:23b.MAT.026.023 Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha.
26:24b.MAT.026.024 UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhaliweyo ngaye. Kodwa ke, yeha, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.
26:25b.MAT.026.025 Waphendula ke uYuda, lowo wamngcatshayo, wathi, Ingaba ndim yini na, Rabhi? Athi yena kuye, Uselutshilo nawe.
26:26b.MAT.026.026 Bakubon ukuba bayadla ke, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.
26:27b.MAT.026.027 Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke;
26:28b.MAT.026.028 kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono.
26:29b.MAT.026.029 Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumka nini bukaBawo.
26:30b.MAT.026.030 Bakuba bevume ingoma yokudumisa, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
26:31b.MAT.026.031 Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi.
26:32b.MAT.026.032 Kodwa emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili.
26:33b.MAT.026.033 Waphendula ke uPetros wathi kuye, Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna.
26:34b.MAT.026.034 Wathi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, Kwangobu busuku, ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.
26:35b.MAT.026.035 Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho nabo bonke abafundi.
26:36b.MAT.026.036 Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane; athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.
26:37b.MAT.026.037 Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu.
26:38b.MAT.026.038 Aze athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde nam.
26:39b.MAT.026.039 Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho.
26:40b.MAT.026.040 Uyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye?
26:41b.MAT.026.041 Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
26:42b.MAT.026.042 Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho.
26:43b.MAT.026.043 Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo.
26:44b.MAT.026.044 Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi.
26:45b.MAT.026.045 Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni.
26:46b.MAT.026.046 Vukani, sihambe; yabonani, usondele lowo undinikelayo.
26:47b.MAT.026.047 Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu.
26:48b.MAT.026.048 Ke kaloku, wayethe lowo umnikelayo wabanika umqondiso, esithi, Endithe ndamanga, nguye lowo; mbambeni.
26:49b.MAT.026.049 Wafika ke kwaoko kuYesu, wathi, Aa, Rabhi! Wamanga nokumanga.
26:50b.MAT.026.050 Wathi ke uYesu kuye, Wethu! Ukho ngani na? Bandula ukuza, bamsa izandla uYesu, bambamba.
26:51b.MAT.026.051 Wesuka omnye wabo babenoYesu, wolula isandla, warhola ikrele lakhe, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe.
26:52b.MAT.026.052 Aze athi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.
26:53b.MAT.026.053 Uba andinako na ngoku ukumbongoza uBawo, andikhuphele imikhosi yezithunywa zezulu engaphezu kweshumi elinamibini?
26:54b.MAT.026.054 Bezingathini na ke oko ukuzaliseka izibhalo ezithi, kumele ukuba kube nje?
26:55b.MAT.026.055 Ngalo elo lixa wathi uYesu kwindimbane, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngathi niphumele isihange? Bendihleli nani imihla ngemihla, ndifundisa etempileni, anandibamba.
26:56b.MAT.026.056 Oku ke konke kwenzeke, ukuze zizaliseke izibhalo zabaprofeti. Basuka bonke abafundi bamshiya, babaleka.
26:57b.MAT.026.057 Abo ke bambambayo uYesu, bamrholela kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona ababhali namadoda amakhulu.
26:58b.MAT.026.058 Ke kaloku uPetros wayemlandela, ebekele kude, kwada kwaya entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. Engene ngaphakathi, wahlala phantsi namadindala, ukuba abone isiphelo.
26:59b.MAT.026.059 Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; ababufumananga;
26:60b.MAT.026.060 nangona afikayo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini,
26:61b.MAT.026.061 athi, Lo wathi, Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.
26:62b.MAT.026.062 Wesuka wema umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Akuphenduli nto na? Bangqina ntoni na aba ngawe?
26:63b.MAT.026.063 Wahlala yena uYesu wathi tu. Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, unyana kaThixo.
26:64b.MAT.026.064 Athi uYesu kuye, Uselutshilo nawe. Ke ndithi kuni, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu.
26:65b.MAT.026.065 Waza umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, esithi, Unyelisile; sisawafunelani na amangqina? Yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe; nithini na nina?
26:66b.MAT.026.066 Baphendula ke bona bathi, Unetyala lokuba afe.
26:67b.MAT.026.067 Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye bammonxoza,
26:68b.MAT.026.068 besithi, Siprofetele, wena Kristu; ubethwe ngubani na?
26:69b.MAT.026.069 Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili.
26:70b.MAT.026.070 Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo.
26:71b.MAT.026.071 Kuthe ke, ephume waya esangweni, sambona esinye; sithi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete.
26:72b.MAT.026.072 Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu.
26:73b.MAT.026.073 Kwathi ke kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba nokuthetha kwakho kuyakudiza.
26:74b.MAT.026.074 Waza waqala ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu. Yasuka yalila kwaoko inkuku.
26:75b.MAT.026.075 Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Ephume phandle, walila ngokukrakra.
27
27:1b.MAT.027.001 Kuthe ke kwakusa, babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bambulale.
27:2b.MAT.027.002 Bathi bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli.
27:3b.MAT.027.003 Waza uYuda, lowo wamngcatshayo, ebone ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wawabuyisela kwakubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu loo maqhosha esilivere amashumi mathathu,
27:4b.MAT.027.004 esithi, Ndonile, kuba ndingcatshe igazi elingenatyala. Bathi ke bona, Iyini na kuthi loo nto? Zibonele wena.
27:5b.MAT.027.005 Wawaphosa phantsi etempileni apho loo maqhosha esilivere, wemka, waya wazixhoma.
27:6b.MAT.027.006 Ke kaloku ababingeleli abakhulu bawathabatha loo maqhosha esilivere, bathi, Akuvumelekile ukuwagalela emkhombeni weminikelo, ngokokuba elinani legazi.
27:7b.MAT.027.007 Babhunga ke, bathenga ngawo umhlaba wombumbi, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.
27:8b.MAT.027.008 Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje.
27:9b.MAT.027.009 Kwazaliseka ke okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, esithi, Bawathabatha loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, inani lalowo wamiselwa inani, abammisela inani aboonyana bakaSirayeli,
27:10b.MAT.027.010 bawarholela umhlaba wombumbi, njengoko yandiyalelayo iNkosi.
27:11b.MAT.027.011 Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza irhuluneli isithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Wathi ke uYesu kuyo, Nawe utsho.
27:12b.MAT.027.012 Ke kaloku ekumangalelweni kwakhe ngababingeleli abakhulu namadoda amakhulu, akaphendulanga nto.
27:13b.MAT.027.013 Aze athi uPilato kuye, Akuziva na ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqinayo ngawe?
27:14b.MAT.027.014 Akaphendula zwi, noko lilinye, yada yamangaliswa kakhulu irhuluneli leyo.
27:15b.MAT.027.015 Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko irhuluneli ibiqhele ukuzikhululela izihlwele umbanjwa abe mnye, lowo babesithi bamfune.
27:16b.MAT.027.016 Baye ke ngelo xesha benombanjwa obesazeka, ekuthiwa nguBharabhas.
27:17b.MAT.027.017 Bakubon ukuba ngoko bahlanganisene, wathi kubo uPilato, Nithanda ukuba ndinikhululele wuphi na, uBharabhas, uYesu ekuthiwa nguKristu, kusini na?
27:18b.MAT.027.018 Kuba ebesazi ukuba bamnikele ngomona.
27:19b.MAT.027.019 Akubon ukuba uhleli esihlalweni sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi, Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndive izinto ezininzi ezinzima ephupheni, ngenxa yakhe.
27:20b.MAT.027.020 Kodwa ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu bazeyisela izihlwele ekuthini zicele uBharabhas, zimtshabalalise uYesu.
27:21b.MAT.027.021 Yaphendula ke irhuluneli yathi kubo, Nguwuphi na kwaba bobabini enithanda ukuba ndinikhululele yena? Bathe ke bona, NguBharabhas.
27:22b.MAT.027.022 Athi uPilato kubo, Ndimenzeni na ke uYesu ekuthiwa nguKristu? Bathi kuye bonke, Makabethelelwe emnqamlezweni.
27:23b.MAT.027.023 Yathi ke irhuluneli, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Makabethelelwe emnqamlezweni.
27:24b.MAT.027.024 Uthe ke uPilato, akubona ukuba akancedi lutho, ebona ukuba sisuke sangakumbi isiphithiphithi, wathabatha amanzi, wahlamba izandla phambi kwezihlwele, esithi, Andinatyala egazini lalo mntu ulilungisa; ziboneleni nina.
27:25b.MAT.027.025 Baphendula bonke abantu bathi, Igazi lakhe malibe phezu kwethu, naphezu kwabantwana bethu.
27:26b.MAT.027.026 Waza wabakhululela uBharabhas; wathi ke, emtyakatyile uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
27:27b.MAT.027.027 Aza amasoldati erhuluneli amthabatha uYesu, amsa endlwini yerhuluneli, alihlanganisela phezu kwakhe ibutho lawo liphela.
27:28b.MAT.027.028 Amhluba, amnxiba ingubo ebomvu.
27:29b.MAT.027.029 Aluka isithsaba ngameva, amthi jize ngaso entloko; abeka nengcongolo esandleni sakhe sokunene, awa ngamadolo phambi kwakhe, adlala ngaye, esithi, Aa! Kumkani wamaYuda!
27:30b.MAT.027.030 Amtshicela, ayithabatha ingcongolo, ambetha entloko.
27:31b.MAT.027.031 Athi, akuba edlale ngaye, amhluba ingubo leyo, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni.
27:32b.MAT.027.032 Athe ke ekuphumeni, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon; anyanzela lowo ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.
27:33b.MAT.027.033 Athi akufika ndaweni kuthiwa yiGologota, oko kukuthi, yindawo yokakayi,
27:34b.MAT.027.034 amnika iviniga iphithikezwe nenyongo, ukuba asele; wathi akuyiva, akavuma ukuyisela.
27:35b.MAT.027.035 Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso, ukuze kuzaliseke okwathethwa ngumprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.
27:36b.MAT.027.036 Ahlala phantsi, amlinda khona apho.
27:37b.MAT.027.037 Babeka ngaphezu kwentloko yakhe ityala lakhe libhaliwe, kwathiwa, lo nguYesu uKumkani wamaYuda.
27:38b.MAT.027.038 Kwaza kwabethelelwa naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.
27:39b.MAT.027.039 Bamnyelisa ke bona abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo,
27:40b.MAT.027.040 besitsho ukuthi, Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise; ukuba unguNyana kaThixo, yihla emnqamlezweni.
27:41b.MAT.027.041 Ngokukwanjalo ke nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye, benabo ababhali namadoda amakhulu, bathi,
27:42b.MAT.027.042 Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba unguKumkani kaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni; sokholwa nguye;
27:43b.MAT.027.043 ukholose ngoThixo, makamhlangule kalokunje, ukuba uyamthanda; kuba wathi, NdinguNyana kaThixo.
27:44b.MAT.027.044 Zaye ke nezihange, ezibe zibethelelwe eminqamlezweni naye, zimngcikiva kwangokunjalo.
27:45b.MAT.027.045 Kuthe ke, kuthabathele kwilixa lesithandathu, kwada kwesa kwilixa lesithoba, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba.
27:46b.MAT.027.046 Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam! Thixo wam! Undishiye ngani na?
27:47b.MAT.027.047 Inxenye ke yababemi khona, yakuva, yathi, Lo mntu ubiza uEliya.
27:48b.MAT.027.048 Wesuka wagidima kwaoko omnye kubo, wathabatha imfunxa, wayizalisa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza.
27:49b.MAT.027.049 Bathe ke bona abanye, Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.
27:50b.MAT.027.050 Uthe ke uYesu, ephinde wadanduluka ngezwi elikhulu, wawukhupha umoya wakhe.
27:51b.MAT.027.051 Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathele phezulu lada lesa phantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka,
27:52b.MAT.027.052 namangcwaba avuleka, zathi izidumbu ezininzi zabangcwele ababelele zavuka;
27:53b.MAT.027.053 baphuma emangcwabeni emveni kokuvuka kwakhe, bangena kuwo umzi ongcwele, babonakala kuninzi.
27:54b.MAT.027.054 Ke kaloku umthetheli-khulu, nabo babelinda uYesu naye, bakubona ukunyikima oko, nezo zinto zenzekileyo, boyika kakhulu, besithi, Inyaniso, lo ebenguNyana kaThixo.
27:55b.MAT.027.055 Kwaye kukho ke khona abafazi abaninzi, bekhangele bemgama, bona babemlandele uYesu kwakwelaseGalili, bemlungiselela;
27:56b.MAT.027.056 ekwakukho phakathi kwabo uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi noYose, kwanonina woonyana bakaZebhedi.
27:57b.MAT.027.057 Kwathi ke kwakuhlwa, kweza umntu osisityebi waseArimati, ogama linguYosefu, owayengumfundi kaYesu naye.
27:58b.MAT.027.058 Yena lowo waya kuPilato, wacela umzimba kaYesu. Waza uPilato wathi makawunikelwe umzimba.
27:59b.MAT.027.059 Ewuthabathile ke umzimba uYosefu, wawusongela kwilinen entle emhlophe.
27:60b.MAT.027.060 Wawubeka kwelakhe ingcwaba elitsha, abelixhole eweni; waqengqela ilitye elikhulu emnyango wengcwaba elo, wemka.
27:61b.MAT.027.061 Baye ke bekhona apho uMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi malunga nengcwaba.
27:62b.MAT.027.062 Ke kaloku ngengomso, eliyimini esemva kwaleyo yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato,
27:63b.MAT.027.063 besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka.
27:64b.MAT.027.064 Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala.
27:65b.MAT.027.065 Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi; hambani niye kunqabisa ngoko nazi ngako.
27:66b.MAT.027.066 Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.
28
28:1b.MAT.028.001 Ke kaloku, ekupheleni kwesabatha, ekuseni ngolokuqala usuku lweveki, kweza uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beza kulikhangela ingcwaba.
28:2b.MAT.028.002 Kwasuka kwabakho unyikimo olukhulu; kuba kwakuhle isithunywa seNkosi emazulwini, seza saliqengqa ilitye lesuka emnyango, sahlala phezu kwalo.
28:3b.MAT.028.003 Ukubonakala kwaso ke kwaye kunjengombane, nesambatho saso saye simhlophe njengekhephu.
28:4b.MAT.028.004 Ngokoyika sona ke bangcangcazela abalindi, baba njengabafileyo.
28:5b.MAT.028.005 Saphendula ke isithunywa sathi kubafazi abo, Musani ukoyika nina; kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu, lowo ubebethelelwe emnqamlezweni.
28:6b.MAT.028.006 Akakho apha; kuba uvukile, njengoko watshoyo; yizani niyibone indawo apho ibilele khona iNkosi.
28:7b.MAT.028.007 Yiyani ngokukhawuleza, nibaxelele abafundi bakhe ukuthi uvukile kwabafileyo; niyabona, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho. Yabonani, ndinixelele.
28:8b.MAT.028.008 Bephume kamsinya engcwabeni, benokoyika nokuvuya okukhulu, bagidima baya kubabikela abafundi bakhe.
28:9b.MAT.028.009 Ke kaloku, xa baya kubabikela abafundi bakhe, wathi thu uYesu, wabahlangabeza, esithi, Vuyani. Beza ke bambamba ngeenyawo, baqubuda kuye.
28:10b.MAT.028.010 Aze athi uYesu kubo, Musani ukoyika; yiyani kubatyela abazalwana bam ukuba baye eGalili; bondibona khona apho.
28:11b.MAT.028.011 Bakubon ukuba bayaya ke, kwesuka kwafika abathile babalindi kuwo umzi, bababikela ababingeleli abakhulu zonke izinto ezenzekileyo.
28:12b.MAT.028.012 Bathe bona, bakuhlanganisana namadoda amakhulu, bakubhunga, bawanika imali eninzi amasoldati lawo,
28:13b.MAT.028.013 besithi, Ze nithi, Abafundi bakhe beza ngobusuku, bamba silele.
28:14b.MAT.028.014 Nokuba ithe yavakala le nto kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, senze ningabi naxhala nina.
28:15b.MAT.028.015 Ayithabatha ke imali leyo, enza njengoko abexelelwe ngako. Laza elo zwi laduma kumaYuda, kwada kwanamhlanje.
28:16b.MAT.028.016 Bahamba ke abafundi abalishumi eli namnye, baya kwelaseGalili, kuloo ntaba wayebayalele yona uYesu.
28:17b.MAT.028.017 Baza bakumbona baqubuda kuye; ke inxenye yathandabuza.
28:18b.MAT.028.018 Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini.
28:19b.MAT.028.019 Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele;
28:20b.MAT.028.020 nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Matthew (Xhosa). Matthew (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3EB-3