Habakkuk (Xhosa)
1
1:1b.HAB.001.001 Isihlabo awasibonayo uHabhakuki umprofeti.
1:2b.HAB.001.002 Kunini na, Yehova, ndizibika, ungeva; ndikhala kuwe ndisithi, Ugonyamelo, ungasindisi?
1:3b.HAB.001.003 Yini na ukuba undikhangelise ubutshinga, ukondele okubi? Yimbuqo nogonyamelo phambi kwam; kukho ubambano, kuphakame ingxabano.
1:4b.HAB.001.004 Ngenxa yoko uyekelelwe umyalelo, ukuze kungaveli naphakade okusesikweni; kuba abangendawo bayawarhawula amalungisa; ngenxa yoko okusesikweni kuphuma kujikekile.
1:5b.HAB.001.005 Khangelani phakathi kweentlanga, nondele, ningakhulumi nokukhuluma; ngokuba ndiya kusebenza umsebenzi ngemihla yenu, eningayi kukholwa nguwo, nokuba niyawubaliselwa.
1:6b.HAB.001.006 Kuba, yabonani, ndixhoxha amaKaledi, uhlanga olulugcalagcala, oluyintshakavula; oluhamba nobubanzi behlabathi, ukuze luhluthe amakhaya angewalo.
1:7b.HAB.001.007 Luyadengisa, luyoyikeka; kuphuma kwakulo okusesikweni kwalo, nokuphakama kwalo.
1:8b.HAB.001.008 Anamendu ngaphezu kwezingwe amahashe alo, aqubula ngaphezu kweengcuka zangokuhlwa. Bayaphalisa abamahashe balo; abamahashe balo beza bevela kude, bee tshwebelele njengexhalanga elikhawulezayo ukuza kudla.
1:9b.HAB.001.009 Bonke bephela beza ngokugonyamela; ubuso babo buzamela phambili; bahlanganisa abathinjwa njengentlabathi.
1:10b.HAB.001.010 Bona bacukuceza ookumkani, nezidwangube ziyintlekisa kubo; bona bayazihleka iinqaba zonke; bafumba uthuli, bazithi hlasi.
1:11b.HAB.001.011 Baya kwandula bakhukule ngokomoya, badlule, bazeke ityala; la mandla abe nguthixo wabo.
1:12b.HAB.001.012 Wena akunguye na owasusela kwakumandulo, Yehova, Thixo wam, ungoyiNgcwele wam? Asiyi kufa. Yehova, ubamisele ukuba bagwebe; Liwa, ubaseke ukuba bohlwaye.
1:13b.HAB.001.013 Wena ungomehlo ahlambulukileyo, ukuba angayikhangeli into embi, ukuba ungabi nakukondela okubi; ubondele ngani na ke abanginizi, ukuba uthi cwaka njeongendawo emginya olilungisa kunaye?
1:14b.HAB.001.014 Ulwenze ke uluntu lwanjengeentlanzi zaselwandle, njengezinambuzane ezingenamlawuli.
1:15b.HAB.001.015 Bonke bephela babanyusa ngeqherhu labo; babaqweqwedisa ngomnatha wabo, babahlanganise ngomnathakazi wabo; ngenxa yoko bayavuya, bagcobe.
1:16b.HAB.001.016 Ngenxa yoko babingelela kumnatha wabo, baqhumisele kumnathakazi wabo; kuba sityebe ngezo zinto isahlulo sabo, nokudla kwabo kwaba ngamanqatha ngazo.
1:17b.HAB.001.017 Baya kuwukhuphela na ngenxa yoko umnatha wabo, bahlale bebulala iintlanga, bangacongi na?
2
2:1b.HAB.002.001 Ndiya kuma emboniselweni yam, ndizibeke phezu kwenqaba, ndibonisele, ukuba ndiyibone into aya kuyithetha kum, nento endiya kuphendula yona ngenxa yesimangalo sam.
2:2b.HAB.002.002 Wandiphendula ke uYehova, wathi, Bhala umbono, uwukrole kakuhle emacwecweni, ukuze abaleke owulesayo.
2:3b.HAB.002.003 Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angathethi wona amanga; ukuba uthe wazilazila, wulinde, kuba uya kuza, awuyi kubuya umva.
2:4b.HAB.002.004 Yabona, ugxalathelene, awuthe tye, umphefumlo wakhe phakathi kwakhe; ke lona ilungisa liya kudla ubomi ngokholo lwalo.
2:5b.HAB.002.005 Naphezu koko, iwayini ngumtshinizisi, umfo okhukhumeleyo, akahlali; yena owandisileyo umbilini wakhe njengelabafileyo, abe enjengokufa, enganeliswa, koko ezihlangani sela kuye iintlanga zonke, azibuthele kuye izizwe zonke.
2:6b.HAB.002.006 Aziyi kuwenza umzekeliso ngaye yini na, zonke ezo ziphela, zimkwekwele, zimntsonkothele, zisithi, Uha, lowo wandisa okungekwakhe! (kunini na?) esenjenjalo ezisindanisa ngezibambiso?
2:7b.HAB.002.007 Abakudlayo abayi kusuka beme ngesiquphe yini na, bavuke abakuqungaqungayo, ube ngamaxhoba kubo?
2:8b.HAB.002.008 Ekubeni wena ubhunyule iintlanga ezininzi, aya kukubhunyula onke amasalela ezizwe, ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.
2:9b.HAB.002.009 Yeha, oyizuzela indlu yakhe inzuzo embi, ukuze ayakhele phezulu indlu yakhe, ukuze azihlangule esandleni sobubi!
2:10b.HAB.002.010 Uyicebele ihlazo indlu yakho, ngokunqamla izizwe ezininzi; wonile kumphefumlo wakho.
2:11b.HAB.002.011 Ngokuba ilitye eliseludongeni liya kukhala, nomqadi womthi usabele kulo.
2:12b.HAB.002.012 Yeha ke, owakha umzi ngamagazi, oqinisa umzi ngobugqwetha!
2:13b.HAB.002.013 Yabona, akuphumi kuYehova wemikhosi na ukuthi izizwe zizixhamlele umlilo, izizwe zizityhafisele okulambathayo?
2:14b.HAB.002.014 Kuba ihlabathi liya kuzala kukwazi ubuqaqawuli bukaYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.
2:15b.HAB.002.015 Yeha, wena useza ummelwane wakho, usongezelela ubushushu bakho kuye, umnxilisa nokumnxilisa, ukuze ubondele ubuze bakhe!
2:16b.HAB.002.016 Uya kuhluthiswa ngocukucezo, kungabi luzuko; sela nawe, kubonakale ukungaluki kwakho. Iya kujikela kuwe indebe yesokunene isandla sikaYehova, ucukucezo olukhulu lube phezu kozuko lwakho.
2:17b.HAB.002.017 Ngokuba ukuyigonyamela kwakho iLebhanon kokugubungela; nokuchithachitha kwakho iinyamakazi, okwaziqhiphula umbilini; ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.
2:18b.HAB.002.018 Unceda ntoni na umfanekiso oqingqiweyo, ukuba awuqingqe nje umenzi wawo? Unceda ntoni na otyhidiweyo, nomyali wobuxoki, ukuba umyili wento ayiyilileyo akholose nje ngayo, ukuze enze izinto ezingento, ezizidenge?
2:19b.HAB.002.019 Uha, kothi emthini, Vuka! athi kwilitye elithe cwaka, Suk ume! Lingayala na? Nalo, lifakwe egolideni nasesilivereni; akukho nto ingumoya phakathi kwalo.
2:20b.HAB.002.020 UYehova ke yena usetempileni yakhe engcwele; malithi tu ebusweni bakhe lonke ihlabathi.
3
3:1b.HAB.003.001 Umthandazo kaHabhakuki umprofeti, ngeshigayon:
3:2b.HAB.003.002 Yehova, ndiluvile udaba lwakho, ndoyika; Yehova, wuphilise umsebenzi wakho phakathi kweminyaka, Wazise phakathi kweminyaka; Ekugugumeni kwakho khumbula inceba.
3:3b.HAB.003.003 UThixo uza evela kwaTeman, OyiNgcwele evela ezintabeni zaseParan. (Phakamisani.) Igubungele amazulu indili yakhe, Ihlabathi lizele yindumiso yakhe.
3:4b.HAB.003.004 Ubumhlophe bakhe busuke baba njengokukhanya; Yimithi emacaleni akhe; Kulapho ke ukuzimela kwamandla akhe.
3:5b.HAB.003.005 Phambi kwakhe kuhamba indyikitya yokufa, Kulandele icesina ezinyaweni zakhe.
3:6b.HAB.003.006 Umi, walishukumisa ihlabathi; Ukhangele, wazishukumisa iintlanga; Zaba nkumenkume iintaba zanini, Zasibekeka iinduli zasephakadeni; Iindlela zakhe yena zisephakadeni.
3:7b.HAB.003.007 Ndibone iintente zakwaKushan zisenkathazweni; Amalengalenga elizwe lakwaMidiyan adidizela.
3:8b.HAB.003.008 Yabe iyimilambo na, Yehova, Yabe iyimilambo, kusini na, owavutha ngayo na umsindo wakho? Yabe ilulwandle, kusini na, Owaphuphumela lona umsindo wakho, Ukuze nje ukhwele emahasheni akho, Ezinqwelweni zakho zokusindisa?
3:9b.HAB.003.009 Sizihlubile sazihluba isaphetha sakho; Zifungelwe ilizwi iintonga zokohlwaya. (Phakamisani.) Ihlabathi uligqobhoza imilambo.
3:10b.HAB.003.010 Zikubonile, ziyankwantya iintaba, Kudlule isiphango samanzi; Amanzi anzongonzongo akhupha isandi sawo, Aziphakamisela phezulu izandla zawo.
3:11b.HAB.003.011 Latshona ilanga nenyanga ekhayeni lazo, Ngokukhanya kweentolo zakho ezihambayo, Ngobumhlophe bokubengezela kwezikhali zakho.
3:12b.HAB.003.012 Ulinyathela ilizwe ubhavuma, Unyhashe iintlanga unomsindo. Uphuma ukuba usindise abantu bakho.
3:13b.HAB.003.013 Ukuba usindise umthanjiswa wakho: Uphaluse intloko endlwini yongendawo, Usihlube isiseko sakhe, ude use entanyeni. (Phakamisani.)
3:14b.HAB.003.014 Uyihlaba ngeentonga zakhe intloko yezimpi zakhe, Ezigalelekayo zisiza kundichitha; Ezikuvuyelela kwazo ngathi ziza kudla olusizana entsithelweni.
3:15b.HAB.003.015 Unyathela ulwandle ngamahashe akho, Isiyaluyalu samanzi amaninzi.
3:16b.HAB.003.016 Ndithe ndakuva, saxuxuzela isisu sam, Umlomo wam wabebezela seso sithonga; Kwangena impehla emathanjeni am, ndagungqa apho ndimi khona; Ukuba ndilindele imini yembandezelo, Eza ebantwini oya kubangenela.
3:17b.HAB.003.017 Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba, Kungabikho ndyebo emidiliyeni; Nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso, Amasimi angabi nakudla, Iphele esibayeni impahla emfutshane, Kungabikho nkomo esitalini:
3:18b.HAB.003.018 Mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova, Ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.
3:19b.HAB.003.019 Ungamandla am uYehova iNkosi; Uzenza iinyawo zam, zibe njengezamaxhamakazi, Andinyathelise emimangweni yam. Kumongameli owokubethelwa izinto ezineentambo.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Habakkuk (Xhosa). Habakkuk (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3DC-4