Jonah (Xhosa)

Jonah (Xhosa)

1

1:1b.JON.001.001 Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kuYona, unyana ka-Amitayi, lisithi,

1:2b.JON.001.002 Suk’ ume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemeze ngawo; kuba iindawo zawo ezimbi zinyukile, zeza phambi kwam.

1:3b.JON.001.003 Wesuka uYona, ebalekela eTarshishe, emka ebusweni bukaYehova. Wehla ke waya eYafo, wafumanana nenqanawa eya eTarshishe. Wayirhola ingqesho yayo, wehla, wangena kuyo, ukuze aye nabo eTarshishe, emke ebusweni bukaYehova.

1:4b.JON.001.004 Ke uYehova wagalelekisa umoya omkhulu elwandle; kwabakho umoya omkhulu ovuthuzayo elwandle, inqanawa leyo yanga iza kwaphuka.

1:5b.JON.001.005 Boyika oomateloshe, bakhala elowo kuthixo wakhe; bayijulela elwandle impahla ebisenqanaweni, ukuziphungulela bona. UYona ke wayehle waya ezantsi enqanaweni, wasindwa bubuthongo walala.

1:6b.JON.001.006 Wasondela kuye umphathi wababheqi, wathi kuye, Wenzani na, thongorhandini? Vuka, ubize kuThixo wakho; mhlawumbi uThixo angasikhumbula, singabhubhi.

1:7b.JON.001.007 Bathi omnye komnye, Yizani, senze amaqashiso, sazi ukuba kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi. Benza amaqashiso, iqashiso laphuma noYona.

1:8b.JON.001.008 Bathi kuye, Khawusixelele, kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi? uyintoni na umsebenzi wakho? uvela phi na? liphi na ilizwe lakowenu? ungowabaphi na abantu?

1:9b.JON.001.009 Wathi kubo, NdingumHebhere; ndiyamoyika uYehova, uThixo wamazulu, owenza ulwandle, nomhlaba lo womileyo.

1:10b.JON.001.010 Oyika amadoda lawo ngoloyiko olukhulu, athi kuye, Yintoni na le uyenzileyo? Ngokuba amadoda lawo ayesazi ukuba ubaleka emka ebusweni bukaYehova; kuba wayewaxelele.

1:11b.JON.001.011 Athi kuye, Masenze ntoni na kuwe, ukuze ulwandle ludambe, lusiyeke? Kuba ulwandle belusiya lusilwa.

1:12b.JON.001.012 Wathi kuwo, Ndifunquleni, nindijulele elwandle, ludambe ulwandle, luniyeke; kuba ndiyazi, ukuba lo moya, mkhulu uvuthuzayo, uphezu kwenu, ungenxa yam.

1:13b.JON.001.013 Atyhudisa emazeni amadoda, ezama ukuyibuyisela emhlabeni owomileyo inqanawa; akhohlwa, kuba ulwandle lwaya lusilwa phezu kwazo ngeenxa zonke.

1:14b.JON.001.014 Anqula uYehova, athi, Gxebe, Yehova, masingafi, masingafi ngomphefumlo wale ndoda, ungalibeki phezu kwethu igazi elimsulwa; ngokuba wena, Yehova, wenze ngokuthanda kwakho.

1:15b.JON.001.015 Amfunqula ke uYona, amjulela elwandle; lwazola ulwandle, lwakuyeka ukujala kwalo.

1:16b.JON.001.016 Amadoda amoyika uYehova ngoloyiko olukhulu, abingelela kuYehova umbingelelo, abhambathisa izibhambathiso.

1:17b.JON.001.017 UYehova wamisela intlanzi enkulu ukuba imginye uYona. UYona waba sembilinini wentlanzi iimini ezintathu nobusuku obuthathu.

2

2:1b.JON.002.001 UYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe embilinini wentlanzi, wathi, Ndakhala kuYehova ndisembandezelweni, Wandiphendula;

2:2b.JON.002.002 Ndazibika ndisesiswini selabafileyo, Waliva wena ilizwi lam.

2:3b.JON.002.003 Ngokuba wawundiphosa enzulwini, embilinini yeelwandle, Umlambo waba ngeenxa zonke kum; Adlula phezu kwam onke amaza akho alwayo, namaza akho agugumayo.

2:4b.JON.002.004 Ndathi ke mna, Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho; Noko ke ndiya kubuya ndibheke etempileni yakho engcwele.

2:5b.JON.002.005 Andirhawula amanzi, ada eza emphefumlweni; Andijikeleza amanzi enzonzobila; Ingca yolwandle yayithi jize intloko yam.

2:6b.JON.002.006 Ndehla ndaya ezikhondweni zeentaba; Lona ihlabathi, imivalo yalo yandivalela ngonaphakade; Wasuka wabunyusa emhadini ubomi bam, Yehova Thixo wam.

2:7b.JON.002.007 Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kwam, ndakhumbula uYehova: Wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele.

2:8b.JON.002.008 Abagcine amampunge angento yanto Bashiya inceba yabo

2:9b.JON.002.009 Ke mna ndiya kubingelela kuwe ndinezwi lokubulela: Endakubhambathisayo ndiya kukuzalisa. Usindiso lukuYehova.

2:10b.JON.002.010 UYehova wathetha nentlanzi, yamhlanzela uYona emhlabeni owomileyo.

3

3:1b.JON.003.001 Kwafika ilizwi likaYehova kuYona okwesibini, lisithi,

3:2b.JON.003.002 Suk’ ume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemeze ngawo umemezo endithetha lona kuwe.

3:3b.JON.003.003 Wesuka ke uYona, waya eNineve ngokwelizwi likaYehova. Ke kaloku iNineve ibingumzi omkhulu kuThixo, iluhambo lweentsuku ezintathu.

3:4b.JON.003.004 UYona waqala wangena kuloo mzi uhambo losuku olunye, wamemeza, wathi, Zisaya kuba ziintsuku ezimashumi mane, iNineve ibhukuqwe.

3:5b.JON.003.005 Amadoda aseNineve akholwa kuThixo, amema uzilo, ambatha ezirhwexayo, ethabathela kwabakhulu bawo, esa kwabancinane bawo.

3:6b.JON.003.006 Lafika ilizwi elo kukumkani waseNineve; wesuka etroneni yakhe, wayisusa wayibeka phantsi ingubo yakhe ende, wazigubungela ngezirhwexayo, wahlala phantsi eluthuthwini.

3:7b.JON.003.007 Wathi, makudandulukwe kutshiwo eNineve ngomthetho wokumkani nezikhulu zakhe, ukuthi: Umntu nempahla enkulu, iinkomo nempahla emfutshane, mazingevi nento; mazingadli, mazingaseli namanzi;

3:8b.JON.003.008 maze azigubungele ngezirhwexayo umntu nempahla enkulu, akhale kuThixo ngokunamandla, abuye elowo endleleni yakhe embi, elugonyamelweni olusezandleni zakhe.

3:9b.JON.003.009 Ngubani na owaziyo ukuba akangebuyi kanti azohlwaye uThixo, abuye ekuvutheni komsindo wakhe, ukuze singabhubhi?

3:10b.JON.003.010 UThixo wazibona izenzo zabo, ukuba babuyile ezindleleni zabo ezimbi; uThixo wazohlwaya ngenxa yobubi, abethe uya kubenza kubo; akabenza.

4

4:1b.JON.004.001 Kwaba kubi kuYona kakhulu, wavutha ngumsindo.

4:2b.JON.004.002 Wathandaza kuYehova, wathi, Camagu, Yehova! Labe lingelilo na ilizwi lam eli, ndisesemhlabeni wakowethu? Ngenxa yoko ndaphanga ngokubalekela eTarshishe; ngokuba ndandisazi ukuba unguThixo obabalayo, onemfesane, ozeka kade umsindo, onenceba enkulu, ozohlwayayo ngenxa yobubi.

4:3b.JON.004.003 Ke ngoku, Yehova, seluwuthabatha umphefumlo wam kum, kuba ukufa kum kulungile kunokuba ndidle ubomi.

4:4b.JON.004.004 Wathi uYehova, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo?

4:5b.JON.004.005 Waphuma ke uYona kuwo umzi, wahlala ngasempumalanga kuwo umzi, wazenzela khona umnquba; wahlala ngaphantsi kwawo emthunzini, ukuze ade abone ukuba kuya kuthekani na kuwo umzi.

4:6b.JON.004.006 UYehova uThixo wammisela umhlavuthwa; waphuma, wenyuka waba phezu koYona, ukuba ube ngumthunzi entlokweni yakhe, umhlangule ebubini bakhe. Wawuvuyela uYona umhlavuthwa lowo, wawuvuyela kakhulu.

4:7b.JON.004.007 UThixo wamisela intlava, ukuthi qhiphu kokusa ngengomso, yabetha umhlavuthwa lowo, woma.

4:8b.JON.004.008 Kwathi ekuphumeni kwelanga, uThixo wamisela ulophu lwasempumalanga; ilanga labetha kuYona entloko, wawa isiduli; wawucelela ukufa umphefumlo wakhe, wathi, Kulungile ukufa kum, kunokuba ndidle ubomi.

4:9b.JON.004.009 Wathi uThixo kuYona, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo ngenxa yomhlavuthwa? Wathi, Ndiyalungisa ukuthi ndivuthe ngumsindo kude kuse ekufeni.

4:10b.JON.004.010 Wathi uThixo, Wena unenceba ngomhlavuthwa, ongabulalekanga nguwo, ongawuhlumisanga, okhule ngobusuku, wadaka ngobusuku:

4:11b.JON.004.011 ndingabi nanceba na ke mna ngenxa yeNineve, loo mzi mkhulu, unabantu abangaphezu kwekhulu elinamanci mabini amawaka, abangakwaziyo ukunene kwabo kwikhohlo labo; kwanempahla enkulu eninzi?


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Jonah (Xhosa). Jonah (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3D3-D