Song of Solomon (Xhosa)

Song of Solomon (Xhosa)

1

1:1b.SON.001.001 Ingoma yazo iingoma, eyekaSolomon.

1:2b.SON.001.002 Makandange ngokwanga komlomo wakhe; Ngokuba izincokoliso zakho zimnandi ngaphezu kwewayini.

1:3b.SON.001.003 Amafutha akho anevumba elimnandi; Liyioli ethululwayo igama lakho; Ngenxa yoko iintombi ziyakuthanda.

1:4b.SON.001.004 Nditsale, sogidima emva kwakho; Ukuba ukumkani undingenise ezingontsini zakhe, Sogcoba, sivuye ngawe. Sozikhankanya izincokoliso zakho ngaphezu kwewayini; Zikuthanda zinyanisile.

1:5b.SON.001.005 Ndimnyama, ndinomkhitha noko, Zintombi zaseYerusalem, Njengeentente zakwaKedare, Njengamalengalenga kaSolomon.

1:6b.SON.001.006 Musani ukundikhangela ngakuba ndife mnyama, Ngakuba nditshe lilanga. Oonyana bakama bandivuthela ngomsindo, Bandenza umlindi wezidiliya; Ke esisesam isidiliya andisilindanga.

1:7b.SON.001.007 Khawundixilele, wena uthandwa ngumphefumlo wam, Walusela phi na? Uyibuthisa phi na imihlambi emini enkulu? Ngokuba kungani na ukuba ndibe njengogqubutheleyo Ngasemihlambini yamakholwane akho?

1:8b.SON.001.008 Ukuba akwazi, nzwakazindini phakathi kweentokazi, Phuma, uhambe ngemikhondo yomhlambi, Uwaluse amatakane akho ngaseminqubeni yabalusi.

1:9b.SON.001.009 Ndikufanekise, wethu, Nehashe kwaweenqwelo zikaFaro!

1:10b.SON.001.010 Zinomkhitha izidlele zakho ziingcaca, Umqala wakho zizidanga.

1:11b.SON.001.011 Sokwenzela iingcaca zegolide Ezinamaqhula esilivere.

1:12b.SON.001.012 Xa ukumkani asesetafileni yakhe, Inadusi yam isuka ilikhuphe ivumba layo.

1:13b.SON.001.013 Sisiqhuma semore intanda yam kum, Esihleli phakathi kwamabele am.

1:14b.SON.001.014 Sisihloko sekofere intanda yam kum Ezidiliyeni zase-Engedi.

1:15b.SON.001.015 Yabona, uyinzwakazi, wethu! Yabona, uyinzwakazi! Amehlo akho anjengawamavukuthu.

1:16b.SON.001.016 Yabona, uyinzwakazi, ntanda yam; ewe, umnandi; Umandlalo wethu uluhlaza.

1:17b.SON.001.017 Imiqadi yendlu yethu yimisedare, Iipanele zethu yimisipres.

2

2:1b.SON.002.001 Ndingumfiyo waseSharon, Ndiyinyibiba yasezintlangeni.

2:2b.SON.002.002 Njengenyibiba phakathi kweminga, Unjalo uwethu phakathi kweentombi.

2:3b.SON.002.003 Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi, Injalo intanda yam phakathi koonyana. Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo, Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam.

2:4b.SON.002.004 Indingenise endlwini yewayini, Nebhanile yayo phezu kwam luthando.

2:5b.SON.002.005 Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi, Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando.

2:6b.SON.002.006 Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam; Esokunene siyandiwola.

2:7b.SON.002.007 Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande.

2:8b.SON.002.008 Phulaphulani! Intanda yam, nantso isiza, Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini.

2:9b.SON.002.009 Intanda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama. Nantso imi emva kodonga lwakokwethu, Ithe nzo ngeefestile, Inyondla ngekroba.

2:10b.SON.002.010 Intanda yam yasusela, yathi kum, Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze;

2:11b.SON.002.011 Ngokuba uyabona, ubusika budlule, Imvula igqithile yemka;

2:12b.SON.002.012 Iintyantyambo zibonakele ezweni; Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile; Izwi lehobe ivakele ezweni lethu;

2:13b.SON.002.013 Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo, Imidiliya ityatyambile, Itsho ngevumba elimnandi. Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze.

2:14b.SON.002.014 Vukuthu lam elisemxawukeni wengxondorha, entsithelweni yemiba, Ndibonise ubuso bakho, ndivise ilizwi lakho; Ngokuba izwi lakho limnandi, ubuso bakho bunomkhitha.

2:15b.SON.002.015 Sibambeleni iimpungutye, iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya; Izidiliya zethu zityatyambile.

2:16b.SON.002.016 Intanda yam yeyam, mna ke ndingowayo Yalusela ezinyibibeni.

2:17b.SON.002.017 Ide iphole imini, oluke amathunzi, Jika, ntanda yam, uxelise ibhadi, uxelise inkonyana yexhama, Ezintabeni ezibugqagala.

3

3:1b.SON.003.001 Esililini sam ebusuku ndamfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam; Ndamfuna andamfumana.

3:2b.SON.003.002 Ndathi, Ndokha ndivuke, ndijikajike phakathi komzi, Ezindaweni zembutho nasezitratweni; Ndiya kumfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam. Ndamfuna andamfumana.

3:3b.SON.003.003 Abalindi abajikajika phakathi komzi bandifumana; Ndathi kubo, Khe nambona na lowo uthandwa ngumphefumlo wam?

3:4b.SON.003.004 Ndithe ndisandula ukudlula kancinane kubo, Ndamlumana lowo uthandwayo ngumphefumlo wam; Ndambamba, andamyeka, Ndada ndamzisa endlwini kama, Engontsini yowandikhawulayo.

3:5b.SON.003.005 Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande.

3:6b.SON.003.006 Ngubani na lo, unyuka evela entlango njengemiqulu yomsi, Eqhunyiselwa ngemore nentlaka emhlophe, Ithatyathwe emigutyeni yonke yomrhwebi?

3:7b.SON.003.007 Yabona, sisingqengqelo sikaSolomon, Siphahlwe ngamagorha angamashumi amathandathu Kumagorha akwaSirayeli.

3:8b.SON.003.008 Onke aphethe amakrele, afundiswe ukulwa, Lilelo linekrele ethangeni lalo Ngenxa yokoyika ebusuku.

3:9b.SON.003.009 Ukumkani uSolomon uzenzele ithala Ngemithi yaseLebhanon.

3:10b.SON.003.010 Iintsika zalo uzenze ngesilivere, Isayamo salo ngegolide, umqamelo walo ngento emfusa, Umphakathi walo ubekelelwe ngothando, Luvela ezintombini zaseYerusalem.

3:11b.SON.003.011 Phumani, zintombi zaseZiyon, nimkhangele ukumkani uSolomon, Enesithsaba, awasinxitywa ngunina ngemini yokuzeka kwakhe, Nangemini yokuvuya kwentliziyo yakhe.

4

4:1b.SON.004.001 Yabona, uyinzwakazi, wethu; yabona, uyinzwakazi. Amehlo akho anjengawamavukuthu ngaphaya kwesigqubuthelo sakho; Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe Osemathambekeni eentaba zaseGiliyadi.

4:2b.SON.004.002 Amazinyo akho anjengomhlambi weegusha ezichetyiweyo, Ezinyukayo zivela ekuhlanjweni, Zinamawele zonke, Kungekho ifelweyo kuzo.

4:3b.SON.004.003 Unjengosinga olubomvu umlomo wakho; Ukuthetha kwakho kumnandi. Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.

4:4b.SON.004.004 Intamo yakho injengenqaba kaDavide, eyakhiwe ngokweendidi, Ekuxhonywe kuyo iwaka leengweletshetshe, Onke amakhaka amagorha.

4:5b.SON.004.005 Amabele akho omabini anjengamankonyana amabini angamawele ebhadi, Esidla phakathi kweenyibiba.

4:6b.SON.004.006 Ide iphole imini, oluke amathunzi, Ndiya kuhamba ndiye entabeni yemore, Nasendulini yentlaka emhlophe.

4:7b.SON.004.007 Uyinzwakazi kwaphela, wethu; Akukho siphako kuwe.

4:8b.SON.004.008 Yiza sihle eLebhanon, mtshakazi, Yiza sihle eLebhanon; Ufike ubonisele encotsheni yeAmana, Encotsheni yeSenire neHermon, Ezikhundleni zeengonyama, ezintabeni zezingwe.

4:9b.SON.004.009 Uyingxwelerhile intliziyo yam, dade wethu, mtshakazi; Uyingxwelerhile intliziyo yam ngomjezulo omnye, Ngamrhukane mnye wesambalo sakho.

4:10b.SON.004.010 Azi kuhle ukuncokolisa kwakho, dade wethu mtshakazi! Azi kumnandi ukuncokolisa kwakho ngaphezu kwewayini, Nevumba lamafutha akho ngaphezu kobulawu buphelele!

4:11b.SON.004.011 Umlomo wakho uvuza incindi, mtshakazi; Bubusi namasi ngaphantsi kolwimi lwakho. Ivumba leengubo zakho linjengevumba leLebhanon.

4:12b.SON.004.012 Ngumyezo obiyelweyo udade wethu, umtshakazi; Ngumgogogo ovaliweyo, liliso lomthombo elitywiniweyo.

4:13b.SON.004.013 Amahlumelo akho ngumyezo wemirharnate, kunye neziqhamo ezimnandi kakhulu, Ikofere kunye nenadusi;

4:14b.SON.004.014 Inadusi nesafron, Ikalamo nesinamon, kunye nemithi yonke yentlaka emhlophe, Imore nehaloti, kunye nobulawu bonke obuyintloko.

4:15b.SON.004.015 Uliliso lomthombo lasemiyezweni, Iqula lamanzi aphilileyo, Nemiqukuqela yamanzi yaseLebhanon.

4:16b.SON.004.016 Vuka, moya wasentla, uze nawe wasezantsi: Phephezela emyezweni wam, buqukuqele ubulawu bawo. Mayingene intanda yam emyezweni wayo, Idle isiqhamo esimnandi kakhulu.

5

5:1b.SON.005.001 Ndingenile emyezweni wam, dade wethu, mtshakazi wam; Ndiyikhile imore yam kunye netyeleba lam; Ndiyidlile intlango yam kunye nencindi yam; Ndiyisele iwayini yam kunye namasi am. Yidlani bethu, Selani nibe mnandi, zintanda.

5:2b.SON.005.002 Ndilele, yona intliziyo yam iphaphamile. Yiva, nantso intanda yam inkqonkqoza, isithi, Ndivulele, dade wethu, vukuthu lam, ngqibeleli yam, Ngokuba intloko yam izele ngumbethe, Isihlwitha sam sizele ngamathontsi obusuku.

5:3b.SON.005.003 Ndathi, Sendikhulule nengubo yam yangaphantsi; ndothini na ukubuya ndinxibe? Sendizihlambile iinyawo zam, ndothini na ukubuya ndizidyobhe?

5:4b.SON.005.004 Intanda yam yasolula isandla sayo ngekroba; Kwasika esiswini ngenxa yayo.

5:5b.SON.005.005 Ndavuka ndaya kuyivulela intanda yam, Nezandla zam zavuza imore; Neminwe yam, imore eyivuzelayo Esiphathweni sesitshixo.

5:6b.SON.005.006 Ndayivulela mna intanda yam; Ke yona intanda yam ibijike yemka. Ndemkelwa ngumbilini yakuthetha; Ndayifuna, andayifumana; Ndayibiza, ayasabela.

5:7b.SON.005.007 Bandifumana abalindi abajikajika phakathi komzi, Bandibetha, bandilimaza; Abalindi beendonga bandilulutha ingubo yam yokwaleka ekrelekrele.

5:8b.SON.005.008 Ndiyanifungisa, zintombi zaseYerusalem, ukuba nithe nayifumana intanda yam, Into enoyixelela yona, nothi, ndiyafa luthando.

5:9b.SON.005.009 Iyintoni na intanda yakho kunezinye iintanda, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Iyintoni na intanda yakho kunezinye, Ukuba wenjenje ukusifungisa?

5:10b.SON.005.010 Intanda yam iqaqambile, iyingqombela, Iyeyongamileyo ngaphezu kwamawaka alishumi.

5:11b.SON.005.011 Intloko yayo iyigolide engcwengiweyo, ecikizekileyo; Isihlwitha sayo siziinduli ngeenduli, simnyama njengehlungulu.

5:12b.SON.005.012 Amehlo ayo anjengawamavukuthu, engasemifuleni yamanzi, Ezihlamba ngamasi, ehleli njengamatye afakwe kakuhle.

5:13b.SON.005.013 Izidlele zayo zinjengemityino yetyeleba, njengeziganga zezityalo zokuqhola; Umlomo wayo unjengeenyibiba, uvuza imore ezivuzelayo.

5:14b.SON.005.014 Izandla zayo ziintonga zegolide, zifakwe amatye aseTarshishe, Isibili sayo siluphondo lwendlovu, lukrwilwe ngesafire.

5:15b.SON.005.015 Imilenze yayo ziintsika zemarmore emhlophe, zifakwe ezisekweni zegolide engcwengiweyo. Isithomo sayo sinjengeLebhanon, sisihle njengemisedare.

5:16b.SON.005.016 Ikhuhlangubo layo linobumnandi; inqwenelekile yona iphela. Yiyo leyo intanda yam; nguye lowo uwethu, Zintombi zaseYerusalem.

6

6:1b.SON.006.001 Iye phi na intanda yakho, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Ibheke ngaphi na intanda yakho, Ukuze sikufunise?

6:2b.SON.006.002 Intanda yam ihle yaya emyezweni wayo, emityinweni yetyeleba, Ukuba yalusele emyezweni, ukuba ikhe iinyibiba.

6:3b.SON.006.003 Mna ndingowentanda yam, nentanda yam yeyam yona; Yalusela ezinyibibeni.

6:4b.SON.006.004 Uyinzwakazi, wethu, njengeTirtsa, Unomkhitha njengeYerusalem; Woyikeka njengemikhosi eneebhanile.

6:5b.SON.006.005 Wasuse amehlo akho kum, Ngokuba andiqwelile. Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe Ezisemathambekeni aseGiliyadi.

6:6b.SON.006.006 Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegusha Ezinyukayo, zivela ekuhlanjweni, Zonke zizele amawele, Kungekho ifelweyo kuzo.

6:7b.SON.006.007 Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho, Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.

6:8b.SON.006.008 Bangamashumi amathandathu ookumkanikazi, angamashumi asibhozo amashweshwe, Neentombi ezingenakubalwa.

6:9b.SON.006.009 Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam; Mnye yena kunina, Umnyulwa walowo wamzalayo. Zambona iintombi, zathi unoyolo, Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe.

6:10b.SON.006.010 Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo, Mhle njengenyanga, Unyulu njengelanga, Woyikeka njengemikhosi eneebhanile?

6:11b.SON.006.011 Bendihle ndaya emyezweni weminoti, Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo, Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na, Imirharnate ityatyambile na.

6:12b.SON.006.012 Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibeke Ezinqwelweni zabantu bam, zamanene.

6:13b.SON.006.013 Buya, buya, mShulamikazi; Buya, buya, sikubone. Nibona ntoni na kumShulamikazi, Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim?

7

7:1b.SON.007.001 Azi kuhle ukunyathela kwakho ngeembadada, ntombi yenene! Izimbo zamanqe akho zinjengezidanga, Umsebenzi wezandla zengcibi.

7:2b.SON.007.002 Inkaba yakho sisidendeleko esiyinqila; Masingasweli iwayini ephithikeziweyo; Isisu sakho sisidimbilili sengqolowa, Sibiyelwe ngeenyibiba.

7:3b.SON.007.003 Amabele akho omabini anjengamankonyana ebhadi, Amankonyana amabini ebhadi, angamawele.

7:4b.SON.007.004 Intamo yakho injengenqaba yophondo lwendlovu; Amehlo akho ngamachibi aseHeshbhon, Ngasesangweni layo, inabantu abaninzi; Impumlo yakho injengenqaba yaseLebhanon Ebheke eDamasko.

7:5b.SON.007.005 Intloko yakho phezu kwakho injengeKarmele, Ubuyakayaka bentloko yakho bunjengosinga olumfusa; Ukumkani ukhonkxwe ngeenjiko zabo.

7:6b.SON.007.006 Azi umhle, azi umnandi, Luthando, eziyolweni!

7:7b.SON.007.007 Iwonga lakho eli lifana nomthi wesundu; Amabele akho afana nezihloko zomdiliya.

7:8b.SON.007.008 Ndathi, Ndiya kuminya emthini wesundu; Ndiya kubambelela emagqabini awo; Amabele akho makabe njengezihloko zomdiliya, Nevumba lempumlo yakho libe njengeeapile;

7:9b.SON.007.009 Nekhuhlangubo lakho libe njengewayini le ilungileyo, Ihla kamnandi kwintanda yam, Ibanga ukuba uthethe umlomo wabaleleyo.

7:10b.SON.007.010 Mna ndingowentanda yam, Kukum ukungxamela kwayo.

7:11b.SON.007.011 Hamba, ntanda yam, siphume siye emaphandleni, Silale emizaneni.

7:12b.SON.007.012 Masivuke kusasa, siye ezidiliyeni, Sibone ukuba umdiliya unamathupha na, iintyantyambo zawo zibhenqekile na, Imirharnate ityatyambile na. Ndokunika apho izincokoliso zam.

7:13b.SON.007.013 Amathuma apha anevumba; Phezu kweminyango yethu ziziqhamo ngeziqhamo ezimnandi kakhulu, ezitsha kwanezidala, Endiziqwebele wena, ntanda yam.

8

8:1b.SON.008.001 Akwaba ubunjengomnakwethu Obesanya amabele kama! Bendingathi, ndikufumene phandle, ndikwange, Bangandideli noko.

8:2b.SON.008.002 Bendiya kukuqhuba, bendiya kukusa endlwini kama; Ubuya kundifundisa. Bendiya kukuseza iwayini eqholiweyo, Nencindi yomrharnate wam.

8:3b.SON.008.003 Isandla sayo sokhohlo besiya kuba phantsi kwentloko yam, Esokunene sayo sindiwole.

8:4b.SON.008.004 Zintombi zaseYerusalem, ndiyanifungisa, Ningathini na ukuluvusa, ningathini na ukuluvuselela uthando, Lude luthande?

8:5b.SON.008.005 Ngubani na lo unyuka evela entlango, Esayama intanda yakhe? Ngaphantsi komapile lo ndakuvusa wena. Khona apha waba nenimba ngawe unyoko, Khona apha waba nenimba owakuzalayo.

8:6b.SON.008.006 Ndibeke njengomsesane wokutywina entliziyweni yakho, njengomsesane wokutywina engalweni yakho. Ngokuba uthando lunjengokufa, ukuba nengcwangu, Ubukhwele bunjengelabafileyo, ukuba lukhuni: Amalangatye abo ngamalangatye omlilo, Ngamadangatye kaYehova.

8:7b.SON.008.007 Amanzi amaninzi akanakulucima uthando; Imilambo ayinakuluntywilisela. Ingafanelana indoda irhole bonke ubuncwane bendlu yayo ngenxa yothando, Ingadelwa ideliwe.

8:8b.SON.008.008 Sinomsakwethu omncinane, Akakabi namabele. Siya kuthini na ngomsakwethu, Mini aganelweyo?

8:9b.SON.008.009 Ukuba uludonga yena, Siya kwakha phezu kwalo uqoqo lwesilivere; Ukuba ungumnyango, Somrhaqa ngamaceba omsedare.

8:10b.SON.008.010 Ndaba ludonga mna, namabele am anjengenqaba; Ndaza emehlweni ayo ndaba njengo fumene uxolo.

8:11b.SON.008.011 USolomon ubenesidiliya eBhahali-amon, Isidiliya wasinikela kubagcini, Ukuze elowo azise iwaka lesilivere ngesiqhamo saso.

8:12b.SON.008.012 Isidiliya sam, esisesam, sona siselulawulweni lwam; Iwaka elo lelakho, Solomon; Amakhulu amabini ngawabagcini besiqhamo saso.

8:13b.SON.008.013 Wena uhleliyo emiyezweni, Amakholwane alibazela indlebe izwi lakho, Ndivise.

8:14b.SON.008.014 Dloba, ntanda yam, Uxelise ibhadi namankonyana amaxhama Ezintabeni zobulawu.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Song of Solomon (Xhosa). Song of Solomon (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3B5-F