Proverbs (Xhosa)
1
1:1b.PRO.001.001 Imizekeliso kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wamaSirayeli, Yokuba kwaziwe ubulumko noqeqesho;
1:2b.PRO.001.002 Yokuba kuqondwe iintetho zengqondo;
1:3b.PRO.001.003 Yokuba kwamkelwe uqeqesho lwengqiqo, Ubulungisa, nesiko, nokuthe tye;
1:4b.PRO.001.004 Yokuba izidenge zinikwe ubuqili, Ulutsha lunikwe ukwazi nokunkqangiyela;
1:5b.PRO.001.005 Ukuze eve osisilumko, aqokele afunde, Oqondayo azuze amacebo obulumko;
1:6b.PRO.001.006 Yokuba kuqondwe umzekeliso nezafobe zokuthetha, Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo.
1:7b.PRO.001.007 Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile.
1:8b.PRO.001.008 Nyana wam, yiva uqeqesho lukayihlo, Ungawulahli umyalo kanyoko.
1:9b.PRO.001.009 Kuba ezo zinto zisisangqawe esihle entlokweni yakho, Nezambalo emqaleni wakho.
1:10b.PRO.001.010 Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, Uze ungavumi ke.
1:11b.PRO.001.011 Ukuba bathe, Hamba nathi, Masilalele igazi, Masibalalele abamsulwa bengenatyala;
1:12b.PRO.001.012 Masibaginye njengelabafileyo behleli, Begqibelele, njengabehla baye emhadini;
1:13b.PRO.001.013 Sofumana ubuncwane obunqabileyo, Sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba;
1:14b.PRO.001.014 Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho, Yoba nye ingxowa yethu sonke:
1:15b.PRO.001.015 Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo; Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo.
1:16b.PRO.001.016 Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi, Zikhawulezela ukuphalaza igazi;
1:17b.PRO.001.017 Kuba ufumana usanekwa umnatha Emehlweni eentaka ezi zonke;
1:18b.PRO.001.018 Ke bona balalela elabo igazi, Bazonda owabo umphefumlo.
1:19b.PRO.001.019 Unjalo umendo wabo bonke abangxamele inzuzo embi; Imka nomphefumlo womniniyo.
1:20b.PRO.001.020 Ubulumko bumemeza ngaphandle, Buvakalisa izwi labo ezitratweni.
1:21b.PRO.001.021 Bumemeza emantloko eendawo zembutho; Ekungeneni kwamasango, Phakathi komzi, buthetha iintetho zabo, busithi:
1:22b.PRO.001.022 Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha, Abagxeki befuna ukugxeka, Izinyabi zithiya ukwazi?
1:23b.PRO.001.023 Nithe nabuyela ekohlwayeni kwam, Niyabona, ndowumpompozisela kuni umoya wam, Ndonazisa amazwi am.
1:24b.PRO.001.024 Ngokokuba ndinibizile, anavuma, Ndolule isandla sam, akwabakho ukhathalayo;
1:25b.PRO.001.025 Nesuka naliyeka necebo lam lonke, Anavuma ndakunohlwaya.
1:26b.PRO.001.026 Nam ke ndonihleka ekusindekeni kwenu; Ndogculela ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu;
1:27b.PRO.001.027 Ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu njengesithonga, Ekuzeni kokusindeka kwenu njengesaqhwithi, Ekufikelweni kwenu yimbandezelo nenkcutheko.
1:28b.PRO.001.028 Baya kwandula bandibize, ndingaphenduli, Bandifune kwakusasa, bangandifumani;
1:29b.PRO.001.029 Ngethuba lokuba bakuthiyile ukwazi, Abakunyula ukoyika uYehova;
1:30b.PRO.001.030 Abalivuma icebo lam, Basigiba sonke isohlwayo sam:
1:31b.PRO.001.031 Baya kudla ke isiqhamo sendlela yabo, Bahluthe ngamacebo abo.
1:32b.PRO.001.032 Kuba ukuphamba kweziyatha kuyazi bulala, Nobunqobo bezinyabi buyazitshabala lisa.
1:33b.PRO.001.033 Ke yena ondivayo uhleli ekholosile, Wonwabile ekunkwantyiseni kobubi.
2
2:1b.PRO.002.001 Nyana wam, ukuba uthe wazamkela iintetho zam, Wayiqwebela kuwe imithetho yam,
2:2b.PRO.002.002 Ukuze uyibazele ubulumko indlebe yakho, Uyithobele ukuqonda intliziyo yakho;
2:3b.PRO.002.003 Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo, Walisa ekuqondeni ilizwi lakho;
2:4b.PRO.002.004 Ukuba uthe wabufuna njengesilivere, Wabumba njengobutyebi obuselelweyo:
2:5b.PRO.002.005 Uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, Ukufumane ukumazi uThixo,
2:6b.PRO.002.006 Ngokuba uYehova upha ubulumko; Emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.
2:7b.PRO.002.007 Ubaqwebela uzimaso abathe tye, Uyingweletshetshe kwabahamba ngengqibelelo,
2:8b.PRO.002.008 Ukuze alondoloze umendo wesiko, Agcine nendlela yabakhe benceba.
2:9b.PRO.002.009 Uya kwandula uqonde ubulungisa, Nesiko, nokuthe tye, nayo yonke imikhondo yokulungileyo;
2:10b.PRO.002.010 Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho, Ukwazi kwenze mnandi umphefumlo wakho.
2:11b.PRO.002.011 Ukunkqangiyela kokugcina, Ukuqonda kokulondoloza;
2:12b.PRO.002.012 Ukuba kukuhlangule endleleni embi, Kubantu abathetha impenduka;
2:13b.PRO.002.013 Kwabashiya umendo wokuthe tye, Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama;
2:14b.PRO.002.014 Kwabavuyela ukwenza ububi, Bagcobe ngeempenduka zabenza ububi;
2:15b.PRO.002.015 Abamendo ujibilizayo, Abathi gu bucala ngemikhondo yabo;
2:16b.PRO.002.016 Ukuze uhlangulwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho yakhe igudileyo;
2:17b.PRO.002.017 Lowo ushiya ikholwane lobutsha bakhe, Awulibale umnqophiso woThixo wakhe.
2:18b.PRO.002.018 Kuba utshona ekufeni nendlu yakhe, Nemikhondo yakhe itshonela kwabangasekhoyo;
2:19b.PRO.002.019 Bonke abangenayo kuye ababuyi, Abafiki kumendo wobomi:
2:20b.PRO.002.020 Ukuze uhambe ngendlela yabalungileyo, Ugcine umendo wamalungisa.
2:21b.PRO.002.021 Ngokuba abathe tye baya kulima ilizwe, Basale kulo abagqibeleleyo,
2:22b.PRO.002.022 Banqunyulwe ezweni abangendawo, Abanginizayo bancothulwe kulo.
3
3:1b.PRO.003.001 Nyana wam, musa ukuwulibala umyalelo wam; Intliziyo yakho mayiyibambe imithetho yam;
3:2b.PRO.003.002 Kuba iya kukongeza imihla emide, Neminyaka yobomi, noxolo.
3:3b.PRO.003.003 Inceba nenyaniso mayingakushiyi; Zinxibe kuwe emqaleni; Zibhale elucwecweni lwentliziyo yakho,
3:4b.PRO.003.004 Ubabalwe ube nengqiqo entle Emehlweni kaThixo nawabantu.
3:5b.PRO.003.005 Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda.
3:6b.PRO.003.006 Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho.
3:7b.PRO.003.007 Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo; Yoyika uYehova usuke entweni embi.
3:8b.PRO.003.008 Ukuphila kobakho enkabeni yakho, Nokuqina emathanjeni akho.
3:9b.PRO.003.009 Mzukise uYehova ngobuncwane bakho, Nangentlahlela yongeniselo lwakho lonke:
3:10b.PRO.003.010 Ozala amaqonga akho bubuninzi, Nemikhombe yakho yokukhongozela iphuphume iwayini entsha.
3:11b.PRO.003.011 Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa, Ungakruquki sisohlwayo sakhe;
3:12b.PRO.003.012 Kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya, Njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye.
3:13b.PRO.003.013 Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, Lomntu ozuze ingqondo!
3:14b.PRO.003.014 Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere, Nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo.
3:15b.PRO.003.015 Bunqabile bona ngaphezu kwekorale, Nezinto zakho zonke ezinqwenelekayo azilingani nabo.
3:16b.PRO.003.016 Imihla emide isesandleni sabo sokunene, Kwesokhohlo sabo bubutyebi nozuko.
3:17b.PRO.003.017 Iindlela zabo ziindlela ezimnandi, Wonke umendo wabo uluxolo.
3:18b.PRO.003.018 Bungumthi wobomi kwababambelela kubo, Unoyolo obubambayo.
3:19b.PRO.003.019 UYehova waliseka ihlabathi ngobulumko, Walizinzisa izulu ngengqondo.
3:20b.PRO.003.020 Agqobhoka amanzi anzongonzongo ngokwazi kwakhe, Savuza umbethe isibhakabhaka.
3:21b.PRO.003.021 Nyana wam, ezi nto mazingemki emehlweni akho: Londoloza uzimaso nomnkqangiyelo.
3:22b.PRO.003.022 Zoba bubomi emphefumlweni, Nento entle emqaleni wakho.
3:23b.PRO.003.023 Uya kwandula uhambe ngendlela yakho ukholosile. Lungabetheki unyawo lwakho.
3:24b.PRO.003.024 Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya; Wolala, bube mnandi ubuthongo bakho.
3:25b.PRO.003.025 Musa ukoyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe, Nasithonga sabangendawo, sakufika.
3:26b.PRO.003.026 Kuba uYehova uya kuba yinqolonci yakho, Alugcine unyawo lwakho lungabanjiswa.
3:27b.PRO.003.027 Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo, Kwakuba kusemandleni esandla sakho ukuyenza.
3:28b.PRO.003.028 Musa ukuthi kummelwane wakho, Hamba, wobuya uze, Ndokunika ngomso; Kanti unayo.
3:29b.PRO.003.029 Musa ukuyila ububi ngommelwane wakho, Ehleli nawe yena ekholosile.
3:30b.PRO.003.030 Musa ukubambana nomntu kungekho nto, Engakuphathanga kakubi nje.
3:31b.PRO.003.031 Musa ukuyimonela indoda egonyamelayo, Unganyuli nanye kwiindlela zayo.
3:32b.PRO.003.032 Kuba othi gu bucala ulisikizi kuYehova; Ke lunabathe tye ucweyo lwakhe.
3:33b.PRO.003.033 Ingqalekiso kaYehova isendlwini yongendawo; Ke isithili samalungisa uyasisikelela.
3:34b.PRO.003.034 Ngokubhekisele kubagxeki, uyabagxeka; Ke abalulamileyo uyabababala.
3:35b.PRO.003.035 Izilumko ziya kuludla ilifa uzuko; Ke izinyabi zamkela umrhumo wokucukucezwa.
4
4:1b.PRO.004.001 Luveni, bonyana, uqeqesho lukayihlo, Nizibaze iindlebe ukuze nikwazi ukuqonda.
4:2b.PRO.004.002 Kuba ndininika imfundiso elungileyo; Musani ukuwushiya umyalelo wam.
4:3b.PRO.004.003 Kuba ndandingunyana kubawo, Ndithambile, ndimnye phambi koma.
4:4b.PRO.004.004 Wandiyala ke, wathi kum, Intliziyo yakho mayiwabambe amazwi am; Gcina imithetho yam, uphile,
4:5b.PRO.004.005 Rhweba ubulumko, rhweba ingqondo; Musa ukulibala, ungathi gu bucala entethweni yomlomo wam.
4:6b.PRO.004.006 Musa ukubushiya, bokugcina; Buthande, bokulondoloza.
4:7b.PRO.004.007 Ingqalo yobulumko ithi, Rhweba ubulumko, Ngako konke ukurhweba kwakho urhwebe ingqondo.
4:8b.PRO.004.008 Bunonelele, bokuphakamisa; Bokuzukisa, xa uthe wabuwola.
4:9b.PRO.004.009 Boyinika intloko yakho isangqawe esihle, Bokupha isithsaba sokuhomba.
4:10b.PRO.004.010 Yiva, nyana wam, uyamkele intetho yam, Iba mininzi kuwe iminyaka yobomi.
4:11b.PRO.004.011 Ndikuyalele indlela yobulumko, Ndikunyathelise emkhondweni wokuthe tye.
4:12b.PRO.004.012 Ekuhambeni kwakho akayi kuxinana amabanga akho; Nokuba uthe wagidima, akuyi kukhubeka.
4:13b.PRO.004.013 Bambelela eluqeqeshweni, musa ukuluyeka; Lulondoloze, ngokuba lububomi bakho.
4:14b.PRO.004.014 Musa ukungena emendweni wabangendawo, Unganyatheli endleleni yabanobubi.
4:15b.PRO.004.015 Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo; Yicezele, ugqithe.
4:16b.PRO.004.016 Kuba abalali, ukuba abathanga benze ububi; Bemkelwa bubuthongo ukuba abathanga bakhubekise abanye.
4:17b.PRO.004.017 Kuba badla isonka sokungendawo, Basele iwayini yogonyamelo.
4:18b.PRO.004.018 Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, Okuya kuba mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.
4:19b.PRO.004.019 Indlela yabangendawo injengesithokothoko; Abayazi into abakhubeka kuyo.
4:20b.PRO.004.020 Nyana wam, wabazele indlebe amazwi am; Intetho yam yithobele indlebe yakho.
4:21b.PRO.004.021 Mayingemki emehlweni akho; Yigcine entliziyweni yakho ngaphakathi.
4:22b.PRO.004.022 Kuba ibubomi kwabayifumanayo, Nempiliso enyameni yabo yonke.
4:23b.PRO.004.023 Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho; Kuba aphuma kuyo amathende obomi.
4:24b.PRO.004.024 Kususe kuwe ukujibiliza komlomo, Nokuthi gu bucala komlomo kudedise kuwe.
4:25b.PRO.004.025 Amehlo akho makakhangele athi gca, Neenkophe zakho zithi nzo kokuphambi kwakho.
4:26b.PRO.004.026 Lungelelanisa umkhondo wonyawo lwakho, Zonke iindlela zakho zizimaseke.
4:27b.PRO.004.027 Musa ukuthi gu bucala ngasekunene nangasekhohlo; Susa unyawo lwakho entweni embi.
5
5:1b.PRO.005.001 Nyana wam, bubazele indlebe ubulumko bam, Ingqondo yam uyithobele indlebe yakho;
5:2b.PRO.005.002 Ukuze ugcine iminkqangiyelo, Ulondoloze ukwazi umlomo wakho.
5:3b.PRO.005.003 Ngokuba ivuza incindi yobusi imilebe yomlomo womkamntu, Libuthelezi ngaphezu kweoli ikhuhlangubo lakhe;
5:4b.PRO.005.004 Ke ukuphela kwakhe kukrakra njengomhlonyane, Kubukhali njengekrele elintlangothi mbini.
5:5b.PRO.005.005 Iinyawo zakhe zihla ziye ekufeni, Amabanga akhe abambelele kwelabafileyo.
5:6b.PRO.005.006 Akangeze wahamba ngomendo wobomi; Imikhondo yakhe iyajikajika, engazi.
5:7b.PRO.005.007 Ke ngoku, bonyana, ndiveni, Ningemki entethweni yomlomo wam.
5:8b.PRO.005.008 Mayibe kude kuye indlela yakho, Ungasondeli emnyango wendlu yakhe;
5:9b.PRO.005.009 Hleze uyinike abanye intlahla yakho, Uyinike isijorha iminyaka yakho;
5:10b.PRO.005.010 Hleze kuhluthe abasemzini ngamandla akho, Kungene endlwini yowolunye uhlanga ukubulaleka kwakho;
5:11b.PRO.005.011 Ugcume ekupheleni kwakho, Ekudlekeni kwenyama yakho nezihlunu zakho;
5:12b.PRO.005.012 Uthi, Bendiluthiyeleni na uqeqesho, Yasigiba isohlwayo intliziyo yam?
5:13b.PRO.005.013 Andaliphulaphula izwi labayali bam; Andayithobela indlebe yam kubafundisi bam!
5:14b.PRO.005.014 Ndaphantsa ukuba sebubini bonke Esazulwini sesikhungu nebandla.
5:15b.PRO.005.015 Sela amanzi kwelakho iqula, Nemiqukuqela yamanzi ephuma emthonjeni wakho.
5:16b.PRO.005.016 Mayiphalale phandle imithombo yakho, Ibe yimijelo yamanzi ezitratweni.
5:17b.PRO.005.017 Mayibe yeyakho, yeyakho wedwa, Ingabi yeyabangengabo abakowenu kunye nawe.
5:18b.PRO.005.018 Malisikelelwe ithende lakho, Uvuye ngumfazi wobutsha bakho;
5:19b.PRO.005.019 Makabe yimazi yexhama elithandekayo, neyegogo elihle; Amabele akhe akukholise ngamaxesha onke, Uyotywe luthando lwakhe kuphele.
5:20b.PRO.005.020 Yini na, nyana wam, ukuba uyotywe ngumkamntu, Uwole isifuba sowolunye uhlanga?
5:21b.PRO.005.021 Kuba iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova, Ayilungelelanise imikhondo yakhe.
5:22b.PRO.005.022 Ubugwenxa bakhe bumthi hlasi ongendawo, Abanjwe ziimbophelelo zesono sakhe.
5:23b.PRO.005.023 Yena ufa kukuswela uqeqesho, Ayobe ebuninzini bokumatha kwakhe.
6
6:1b.PRO.006.001 Nyana wam, ukuba uthe wammela ummelwane wakho, Wabambana nomnye ngesandla:
6:2b.PRO.006.002 Urhintyelwe ngentetho yomlomo wakho, Uthiwe hlasi ngentetho yomlomo wakho.
6:3b.PRO.006.003 Yenza le nto ngoku, nyana wam, uzihlangule; Kuba uzifake esandleni sommelwane wakho; Yiya, ziwise phantsi, umzame ummelwane wakho.
6:4b.PRO.006.004 Musa ukuwanika ubuthongo amehlo akho, Ungaziniki kozela iinkophe zakho;
6:5b.PRO.006.005 Zihlangule esandleni njengebhadi, Njengentaka esandleni somthiyeli.
6:6b.PRO.006.006 Yiya embovaneni, vilandini; Khangela iindlela zayo, ulumke:
6:7b.PRO.006.007 Yona ithi, ingenamphathi, Namongameli, namlawuli,
6:8b.PRO.006.008 Isuke isilungise isonka sayo ehlotyeni, Ikubuthe ukudla kwayo ngexa lokuvuna.
6:9b.PRO.006.009 Kunini na ulele, vilandini? Uya kuvuka nini na ebuthongweni bakho?
6:10b.PRO.006.010 Xa uthe, Intwana yobuthongo, intwana yokozela, Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:
6:11b.PRO.006.011 Boza ubuhlwempu bakho njengomhambi, Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.
6:12b.PRO.006.012 Ngumntu olitshijolo, ngumntu okhohlakeleyo, Lowo uhamba ngokujibiliza komlomo wakhe;
6:13b.PRO.006.013 Utyanda ngoshiyi, uqhubukusha ngeenyawo, Walatha ngophakathi wakhe.
6:14b.PRO.006.014 Yimpenduka entliziyweni yakhe, uyila ububi ixesha lonke, Ungenisa ingxabano.
6:15b.PRO.006.015 Ngenxa yoko kuya kufika ngesiquphe ukusindeka kwakhe; Uya kwaphuka ngephanyazo, angabi nakunyangwa.
6:16b.PRO.006.016 Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova, Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe:
6:17b.PRO.006.017 Ngamehlo aqwayingayo; lulwimi oluxokayo; Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa;
6:18b.PRO.006.018 Yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga; Ziinyawo ezikhawulezayo ukugidimela ebubini;
6:19b.PRO.006.019 Lingqina elixokayo, elifutha amanga; Nongenisa ingxabano phakathi kwabangabazalwana.
6:20b.PRO.006.020 Nyana wam, bamba umthetho kayihlo, Ungasilahli isiyalo sikanyoko.
6:21b.PRO.006.021 Sibophe entliziyweni yakho okukanye, Usinxibe emqaleni wakho.
6:22b.PRO.006.022 Ekuhambeni kwakho sokukhapha; Ekulaleni kwakho sokugcina; Ekuvukeni kwakho soncokola nawe.
6:23b.PRO.006.023 Ngokuba usisibane umthetho, silukhanyiso isiyalo; Zinyindlela yobomi izohlwayo eziqeqeshayo;
6:24b.PRO.006.024 Ukuba ugcinwe kumfazi onobubi, Ekugudeni kolwimi lowolunye uhlanga.
6:25b.PRO.006.025 Musa ukubukhanuka ubunzwakazi bakhe ngentliziyo yakho, Angakubambisi ngeenkophe zakhe;
6:26b.PRO.006.026 Kuba ngenxa yehenyukazi umntu uda adle kuphela intendana yesonka; Umkamntu uzingela umphefumlo onqabileyo.
6:27b.PRO.006.027 Umntu unokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe, Zingatshi na iingubo zakhe?
6:28b.PRO.006.028 Unokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo, Zingatyabuki na iinyawo zakhe?
6:29b.PRO.006.029 Unjalo ongena emfazini wommelwane wakhe; Akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa.
6:30b.PRO.006.030 Alidelwa isela, xa lithe labela Ukwanelisa umphefumlo walo, xa lithe lalamba;
6:31b.PRO.006.031 Lifunyenwe, lihlawula kasixhenxe, Lirhola bonke ubuncwane bendlu yalo.
6:32b.PRO.006.032 Okrexeza umfazi ke uswele intliziyo; Owenza loo nto ngumonakalisi womphefumlo wakhe.
6:33b.PRO.006.033 Ufumanana nobetho nocukucezo, Ungcikivo lwakhe alucimi.
6:34b.PRO.006.034 Kuba ikhwele libubushushu bendoda, Ayiyi kuyeka ngemini yempindezelo.
6:35b.PRO.006.035 Ayiyi kulubeka ucamagusho, nokuba luluphi na; Ayiyi kuvuma, naxa uthe wayicenga ngeento ezininzi.
7
7:1b.PRO.007.001 Nyana wam, gcina intetho yam, Uyiqwebele kuwe imithetho yam.
7:2b.PRO.007.002 Gcina imithetho yam, udle ubomi; Nesiyalo sam, njengokhozo lweliso lakho.
7:3b.PRO.007.003 Yibophe eminweni yakho, Yibhale emacwecweni entliziyo yakho.
7:4b.PRO.007.004 Yithi kubulumko, Ungudade wethu; Uthi, Ingqondo sisihlobo;
7:5b.PRO.007.005 Ukuze ugcinwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho igudileyo.
7:6b.PRO.007.006 Kuba ngefestile yendlu yam, Ndingasemva kwenqwanqwa, ndalunguza;
7:7b.PRO.007.007 Ndabona phakathi kweziyatha, Ndaqonda phakathi kwamadodana, Umfana oswele intliziyo;
7:8b.PRO.007.008 Ehambahamba esesitratweni, kufuphi nekhumbi lendlu yomkamntu, Enyathela ngendlela ngasendlwini yakhe;
7:9b.PRO.007.009 Ngongcwalazi, ukumka komhla, Naphakathi kobusuku esithokothokweni.
7:10b.PRO.007.010 Nanko umfazi emkhawulela, Enengubo yehenyukazi, enentliziyo enobuqhetseba.
7:11b.PRO.007.011 Uyaphithizela, uyinjubaqa; Azihlali endlwini yakhe iinyawo zakhe.
7:12b.PRO.007.012 Uthi ephandle, abe esezitratweni, Alale kufuphi neembombo zonke.
7:13b.PRO.007.013 Wambamba ke, wamanga, Wayingwanyalala ubuso; wathi kuye,
7:14b.PRO.007.014 Imibingelelo yoxolo ibiphezu kwam, Namhla ndizizalisile izibhambathiso zam.
7:15b.PRO.007.015 Ngenxa yoko ndiphume ndeza kukukhawulela, Ndihle ndakufuna ubuso bakho; ndikufumene ke.
7:16b.PRO.007.016 Umandlalo wam ndiwandlele ngemiqamelo, Ngeengubo ezimfakamfele zoluko lwaseYiputa;
7:17b.PRO.007.017 Ndisifefe isilili sam Ngemore, nehaloti, nesinamon.
7:18b.PRO.007.018 Yize ke sizikholise ngezincokoliso kude kuse, Sizidlamkise ngothando.
7:19b.PRO.007.019 Kuba indoda ayikho ekhaya, Ihambe uhambo olude;
7:20b.PRO.007.020 Iphethe ingxowa yemali; Yobuya ngosuku lokuhlangana kwenyanga ukuza ekhaya.
7:21b.PRO.007.021 Wamthi gu bucala ngobuninzi bobuciko bakhe, Wamwexula ngokumcenga kwakhe.
7:22b.PRO.007.022 Wamlandela ke ngesiquphe, Njengenkomo isiya ekuxhelweni, Njengesimathane sisiya kuqinwa ngamakhamandela,
7:23b.PRO.007.023 Njengentaka ikhawulezela esibatheni; Ingazi ukuba oko kuyingozi kumphefumlo wayo, Lude utolo lusicande isibindi sakhe.
7:24b.PRO.007.024 Ke ngoko, bonyana, ndiphulaphuleni, Niyibazele indlebe intetho yomlomo wam.
7:25b.PRO.007.025 Intliziyo yakho mayinganxaxheli ezindleleni zakhe, Ungandwendweli emendweni wakhe.
7:26b.PRO.007.026 Kuba zininzi iingxwelerha aziwisileyo; Linani elikhulu alibuleleyo.
7:27b.PRO.007.027 Iziindlela zelabafileyo indlu yakhe, Zihla ziye ezingontsini zokufa.
8
8:1b.PRO.008.001 Abumemezi na ubulumko? Nengqondo ayilikhuphi na ilizwi layo?
8:2b.PRO.008.002 Emantloko eendawo eziphezulu ngasendleleni, Ekuhlanganeni kweendlela, buzimisile.
8:3b.PRO.008.003 Ngasemasangweni, ekuphumeni kuso isixeko, Ekungeneni eminyango, buyamemelela, buthi:
8:4b.PRO.008.004 Ndimemeza kuni, madoda; Izwi lam ndilisingisa koonyana babantu.
8:5b.PRO.008.005 Buqondeni ubuqili, ziyatha; Yiqondeni intliziyo, zinyabi.
8:6b.PRO.008.006 Yivani, kuba ndithetha izinto zobuhlalu, Nokuvula imilebe yomlomo wam kuthe tye.
8:7b.PRO.008.007 Ngokuba umlomo wam uxela inyaniso; Okungendawo kulisikizi emilebeni yomlomo wam.
8:8b.PRO.008.008 Yonke intetho yomlomo wam isebulungiseni; Kuyo akukho kubhijeneyo nokujibilizayo.
8:9b.PRO.008.009 Yonke iphela ithe gca konengqondo, Ithe tye kwabafumene ukwazi.
8:10b.PRO.008.010 Yamkelani uqeqesho lwam, ningamkeli silivere; Yamkelani ukwazi ngaphezu kwegolide embiweyo, enyuliweyo.
8:11b.PRO.008.011 Kuba ubulumko bulungile ngaphezu kwekorale, Neento zonke ezinqwenelwayo azilingani nabo.
8:12b.PRO.008.012 Mna, bulumko, ndakhele ebuqilini; Ndinokukufumana ukuyazi iminkqangiyelo.
8:13b.PRO.008.013 Ukoyika uYehova kukuthiya into embi: Ikratshi nokukratsha, nendlela embi, Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile.
8:14b.PRO.008.014 Likum icebo nozimaso; Ndiyingqondo, bobam ubugorha.
8:15b.PRO.008.015 Ookumkani banobukumkani ngam; Nezidwangube zimisa ubulungisa ngam.
8:16b.PRO.008.016 Bathethela ngam abathetheli, Namanene, nabagwebi bonke behlabathi.
8:17b.PRO.008.017 Abandithandayo ndiyabathanda nam; Nabandifunayo kwakusasa bayandifumana.
8:18b.PRO.008.018 Bunam ubutyebi nozuko, Ubuncwane obusisimakade nobulungisa.
8:19b.PRO.008.019 Silungile isiqhamo sam ngaphezu kwegolide embiweyo, nakwengcwengekileyo; Lulungile ungeniselo lwam ngaphezu kwesilivere enyuliweyo.
8:20b.PRO.008.020 Ndihamba ngomendo wobulungisa, Phakathi kweendlela ezisesikweni;
8:21b.PRO.008.021 Ukuze abandithandayo ndibadlise ilifa elililo, Ndizizalise izindlu zabo zobuncwane.
8:22b.PRO.008.022 UYehova wandivelisa ndaba yintlahlela yendlela yakhe, Ndaba ngowamandulo emisebenzini yakhe yakudala.
8:23b.PRO.008.023 Ndamiswa kwasephakadeni, kwasentloko, Kwasemandulweni ehlabathi.
8:24b.PRO.008.024 Ndazalwa kungekabikho manzi anzongonzongo, Kungekabikho mithombo inzima ngamanzi.
8:25b.PRO.008.025 Ndazalwa kungekafakwa ntaba, Naphambi kweenduli;
8:26b.PRO.008.026 Engekawenzi umhlaba namaphandle, Nothuli lonke lwelimiweyo.
8:27b.PRO.008.027 Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho; Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo;
8:28b.PRO.008.028 Ekusiqiniseni kwakhe isibhakabhaka phezulu; Ekugalelekeni kwemithombo yamanzi anzongonzongo;
8:29b.PRO.008.029 Ekulumiseleni kwakhe ulwandle umda walo, Ukuba amanzi angawugqithi umthetho wakhe; Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi:
8:30b.PRO.008.030 Ndaye ndinaye, ndiyingcibi yomsebenzi, Ndiziyolisa ngokwam iimini ngeemini;
8:31b.PRO.008.031 Ndidlala phambi kwakhe ixesha lonke, Ndidlala kwelimiweyo ihlabathi lakhe; Nokuziyolisa kwam kukoonyana babantu.
8:32b.PRO.008.032 Ke ngoko, bonyana, ndiveni; Hayi, uyolo lwabazigcinayo iindlela zam!
8:33b.PRO.008.033 Yivani uqeqesho, nibe nobulumko, Ningaluyeki.
8:34b.PRO.008.034 Hayi, utolo lomntu ondivayo, Elinde ezingcangweni zam iimini ngeemini, Egcine emigubasini yeminyango yam!
8:35b.PRO.008.035 Kuba ofumana mna, ufumene ubomi; Uzuze okukholekileyo kuYehova.
8:36b.PRO.008.036 Ophosana nam wona owakhe umphefumlo; Bonke abandithiyayo bathanda ukufa.
9
9:1b.PRO.009.001 Ubulumko buyakhile indlu yabo, Buzixholile iintsika zabo zosixhenxe;
9:2b.PRO.009.002 Buzixhelile iinkomo zabo, buyiphithikezile iwayini yabo; Busilungisile nesithebe sabo;
9:3b.PRO.009.003 Buthume umthinjana wabo, buyamema Ezingqolweni zeenduli zesixeko, buthi,
9:4b.PRO.009.004 Ngubani na osisiyatha? Makaphambukele apha. Oswele intliziyo, buthi kuye,
9:5b.PRO.009.005 Yizani nidle isonka sam, Nisele iwayini endiyiphithikezileyo.
9:6b.PRO.009.006 Yekani ukuba ziziyatha, niphile, Ninyathele endleleni yengqondo.
9:7b.PRO.009.007 Othethisa umgxeki uzizekela ucukucezo; Owohlwaya ongendawo uzizekela isiphako.
9:8b.PRO.009.008 Musa ukumohlwaya umgxeki, hleze akuthiye; Yohlwaya isilumko, sokuthanda.
9:9b.PRO.009.009 Siluleke isilumko, solumka okunye; Lazise ilungisa, lokongeza ukufunda.
9:10b.PRO.009.010 Yingqalo yokulumka ukoyika uYehova; Ukumazi oyiNgcwele kwaphela yingqondo.
9:11b.PRO.009.011 Kuba yoba mininzi imihla yakho, Wongezwe iminyaka yobomi.
9:12b.PRO.009.012 Ukuba uthe walumka, uzilumkela okwakho; Ukuba uthe wagxeka, oko wokuthwala wedwa.
9:13b.PRO.009.013 Umfazi onguNonyabi uyaxokozela, Unobuyatha, akazi nto;
9:14b.PRO.009.014 Uhleli emnyango endlwini yakhe esihlalweni, Ezindaweni eziphezulu zesixeko,
9:15b.PRO.009.015 Ukuba ameme abadlula ngendlela, Abalungelelanisa umendo wabo, esithi,
9:16b.PRO.009.016 Ngubani na osisiyatha? Makaphambukele apha. Koswele intliziyo, uthi yena,
9:17b.PRO.009.017 Amanzi abiweyo anencasa, Nesonka esityiwa ngasese simnandi kunene.
9:18b.PRO.009.018 Akazi ukuba abafileyo bakhona; Basezinzulwini zelabafileyo abamenywa bakhe. Imizekeliso kaSolomon.
10
10:1b.PRO.010.001 Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise; Ke unyana osisiyatha usisingqala sonina.
10:2b.PRO.010.002 Ubuncwane bokungendawo abunyusi; Ke bona ubulungisa buhlangula ekufeni.
10:3b.PRO.010.003 UYehova akawuyeki ulambe umphefumlo welungisa; Ke imbimbithelo yabangendawo uyayisunduza.
10:4b.PRO.010.004 Uba lihlwempu osebenza ngesandla esidangeleyo; Ke sona isandla sabakhutheleyo siyatyebisa.
10:5b.PRO.010.005 Obutha ehlotyeni ngunyana onengqiqo; Owozela ngexa lokuvuna ngunyana odanisayo.
10:6b.PRO.010.006 Ziintsikelelo entlokweni yelungisa; Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.
10:7b.PRO.010.007 Ukukhunjulwa kwelungisa kuhleli kunentsikelelo; Igama labangendawo liba livithi.
10:8b.PRO.010.008 Ontliziyo ilumkileyo uyayamkela imithetho; Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.
10:9b.PRO.010.009 Ohamba ngengqibelelo uhamba ngenkoloseko; Ke yena ojibilizayo ngeendlela zakhe uyaziwa.
10:10b.PRO.010.010 Otyanda ngoshiyi ubanga imbulaleko; Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.
10:11b.PRO.010.011 Lithende lobomi umlomo welungisa; Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.
10:12b.PRO.010.012 Intiyo ixhokonxa ingxabano; Uthando lugubungela zonke izono.
10:13b.PRO.010.013 Ubulumko bufumaneka emlonyeni wonengqondo; Intonga yeyomhlana woswele intliziyo.
10:14b.PRO.010.014 Izilumko ziya kuqhusheka ukwazi, Ke wona umlomo wesimathane yintshabalalo ekwalapha ukusondela.
10:15b.PRO.010.015 Ubuncwane besityebi ngumzi waso oliqele; Iintshabalalo yabasweleyo bubuhlwempu babo.
10:16b.PRO.010.016 Umvuzo welungisa usingisa ebomini; Ungeniselo longendawo lusingisa esonweni.
10:17b.PRO.010.017 Umendo osa ebomini kukugcina uqeqesho: Olahla isohlwayo uyandwendwa.
10:18b.PRO.010.018 Oyifihlayo intiyo ungumlomo wexoki; Ohambisa intlebendwane usisidenge.
10:19b.PRO.010.019 Ebuninzini bamazwi akusweleki sono; Owubambayo umlomo wakhe unengqiqo.
10:20b.PRO.010.020 Yisilivere enyuliweyo ulwimi lwelungisa; Intliziyo yabangendawo yintwana engeyakonto.
10:21b.PRO.010.021 Umlomo welungisa udlisa abaninzi; Izimathane zifa ngokuswela intliziyo.
10:22b.PRO.010.022 Intsikelelo kaYehova, yiyo etyebisayo, Imbulaleko ayongezi nento kuyo.
10:23b.PRO.010.023 Ukwenza amanyala kunjengokudlala kwisidenge; Ubulumko bunjengokudlala, kwindoda enengqondo.
10:24b.PRO.010.024 Into anxunguphala yiyo ongendawo, yiyo emfikelayo; Akunqwenelayo amalungisa aya kunikwa.
10:25b.PRO.010.025 Kwakugqitha isaqhwithi, akabikho ongendawo; Ke lona ilungisa luseko lwaphakade.
10:26b.PRO.010.026 Njengeviniga emazinyweni, njengomsi emehlweni, Linjalo ivila kwabalithumayo.
10:27b.PRO.010.027 Ukoyika uYehova kongeza imihla; Ke yona iminyaka yabangendawo iyanqanyulwa.
10:28b.PRO.010.028 Ukulinda kwamalungisa luvuyo; Ithemba labangendawo liyadaka.
10:29b.PRO.010.029 Iyinqaba yabagqibeleleyo indlela kaYehova; Yintshabalalo kubasebenzi bobutshinga.
10:30b.PRO.010.030 Ilungisa alishukunyiswa naphakade; Ke bona abangendawo abalihlali ilizwe.
10:31b.PRO.010.031 Umlomo welungisa umila ubulumko; Ulwimi lwempenduka luyanqanyulwa.
10:32b.PRO.010.032 Imilebe yomlomo welungisa iyakwazi okwamkelekileyo; Umlomo wabangendawo uyimpenduka.
11
11:1b.PRO.011.001 Isikali esikhohlisayo singamasikizi kuYehova; Ilitye elizeleyo lilikholo kuye.
11:2b.PRO.011.002 Kwafika ukukhukhumala, kofika ukucukucezwa; Bunabathozamileyo ubulumko.
11:3b.PRO.011.003 Ingqibelelo yabathe tye iyabakhapha; Ukuphenula kwamanginingini kuyawabhuqa.
11:4b.PRO.011.004 Abunyusi ubuncwane ngemini yokuphuphuma komsindo; Ubulungisa buyahlangula ekufeni.
11:5b.PRO.011.005 Ubulungisa bogqibeleleyo bulungelelanisa indlela yakhe; Ongendawo uwa kwangokungendawo kwakhe.
11:6b.PRO.011.006 Ubulungisa babathe tye buyabahlangula; Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo.
11:7b.PRO.011.007 Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe; Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele.
11:8b.PRO.011.008 Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni, Kufike ongendawo esikhundleni salo.
11:9b.PRO.011.009 Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo; Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.
11:10b.PRO.011.010 Isixeko siyadlamka ngokuhlala kakuhle kwamalungisa; Ekutshoneni kwabangendawo kuyamemelelwa.
11:11b.PRO.011.011 Ngentsikelelo yabathe tye siyaphaka nyiswa isixeko; Ngomlomo wabangendawo siyahleleleka.
11:12b.PRO.011.012 Odela ummelwane wakhe uswele intliziyo: Ke indoda enengqondo ihlala ithi tu.
11:13b.PRO.011.013 Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo; Ke yena omoya unyanisileyo uyayigubungela into.
11:14b.PRO.011.014 Kwakuba kungekho mbonisi, bayawa abantu; Usindiso lusebuninzini bamaphakathi.
11:15b.PRO.011.015 Kubi kakhulu komele omnye; Ke yena okuthiyayo ukumela omnye ukholosile.
11:16b.PRO.011.016 Umfazi osimilo silungileyo uzizekela uzuko; Abanobungqwangangqwili bazizekela ubutyebi.
11:17b.PRO.011.017 Uwuphethe kakuhle umphefumlo wakhe umtu onenceba; Isijorha siyihlisele ishwangusha inyama yaso.
11:18b.PRO.011.018 Ongendawo usebenzela umvuzo oyinkohliso; Ke yena ohlwayela ubulungisa unomvuzo oyinyaniso.
11:19b.PRO.011.019 Ubulungisa obububo busingisa ebomini; Ophuthuma ububi usingisa ekuzibulaleni kwakhe.
11:20b.PRO.011.020 Ngamasikizi kuYehova abantliziyo zijibilizayo; Ukholwa ngabo bandlela zigqibeleleyo.
11:21b.PRO.011.021 Ukakade onobubi akabi msulwa; Ke yona imbewu yamalungisa iyasinda.
11:22b.PRO.011.022 Likhonkco legolide ethatheni lehagu Inzwakazi eswele izimvo.
11:23b.PRO.011.023 Umnqweno wamalungisa yinto elungileyo yodwa; Ithemba labangendawo kukuphuphuma nje komsindo.
11:24b.PRO.011.024 Kukho ohlakazayo, aye esanda ngokwanda; Kukho nozinqandayo kokumfaneleyo, oko kube yintswelo yodwa.
11:25b.PRO.011.025 Umphefumlo osikelelayo uyatyetyiswa; Oseza ahluthise abanye, uyasezwa ahluthe naye.
11:26b.PRO.011.026 Omangala nengqolowa, luyamqalekisa uluntu; Intsikelelo isentlokweni yothengisa ngayo.
11:27b.PRO.011.027 Ozondelele okulungileyo ufuna okwamkelekileyo; Ongxamele ububi, buya kumfikela.
11:28b.PRO.011.028 Okholosa ngobutyebi bakhe uya kuwa yena; Ke amalungisa aya kuhluma njengamagqabi.
11:29b.PRO.011.029 Ogxugxisa indlu yakhe uya kudla ilifa elingumoya; Isimathane soba ngumkhonzi kontliziyo ilumkileyo.
11:30b.PRO.011.030 Isiqhamo selungisa ngumthi wobomi; Umbambisi wemiphefumlo sisilumko.
11:31b.PRO.011.031 Yabona, ilungisa liyavuzwa ehlabathini; Wobeka phi na ke ongendawo nomoni!
12
12:1b.PRO.012.001 Uthanda uqeqesho othanda ukwazi; Uthiya isohlwayo osisityhakala.
12:2b.PRO.012.002 Olungileyo uyamkeleka kuYehova; Indoda enamayelenqe uyifumana inetyala.
12:3b.PRO.012.003 Akuzimaseki mntu, enokungendawo; Ke yona ingcambu yamalungisa ayishukunyiswa.
12:4b.PRO.012.004 Umfazi onesidima usisithsaba endodeni yakhe; Owenza okuziintloni unjengempehla emathanjeni ayo.
12:5b.PRO.012.005 Iingcinga zamalungisa zisesikweni; Amacebo abangendawo yinkohliso.
12:6b.PRO.012.006 Amazwi abangendawo ngawokulalela igazi; Umlomo wabathe tye uyabahlangula.
12:7b.PRO.012.007 Bakuba bebhukuqiwe abangendawo, ababikho; Indlu yamalungisa iyema.
12:8b.PRO.012.008 Indoda idunyiswa ngokwengqiqo yayo, Entliziyo igwenxa iba ngodelekileyo.
12:9b.PRO.012.009 Ulungile ophantsi enesicaka, Ngaphezu kozizukisayo eswele ukudla.
12:10b.PRO.012.010 Ilungisa liyawazalelela umphefumlo wenkomo yalo; Iimfesane zabangendawo zibubujorha.
12:11b.PRO.012.011 Owusebenzayo umhlaba wakhe uhlutha kukudla; Osukelana nento engento uswele intliziyo.
12:12b.PRO.012.012 Ongendawo ukhanuka okuzingelwa ngabanobubi; Ingcambu yamalungisa iyanika.
12:13b.PRO.012.013 Ekuphosiseni komlomo kukho isirhintyelo esinobubi; Ke lona ilungisa liyaphuma embandezelweni.
12:14b.PRO.012.014 Ngesiqhamo somlomo wayo indoda iyahlutha kokulungileyo, Nempatho yezandla zomntu ibuyela kuye.
12:15b.PRO.012.015 Indlela yesimathane ithe tye kwawaso amehlo; Ophulaphula ukucetyiswa usisilumko.
12:16b.PRO.012.016 Isimathane sikwazisa kwangaloo mini ukuqumba kwaso; Ke yena onobuqili uyakugubungela ukucukucezwa.
12:17b.PRO.012.017 Ophefumla inyaniso uxela ubulungisa; Ingqina elixokayo lixela inkohliso.
12:18b.PRO.012.018 Kukho ophololoza njengokuhlaba kwekrele; Ke lona ulwimi lwezilumko luyaphilisa.
12:19b.PRO.012.019 Umlomo wenyaniso uzimasekile kwaphela; Ke lona ulwimi oluxokayo lolwephanyazo.
12:20b.PRO.012.020 Inkohliso isentliziyweni yabayila ububi; Ke bona abacebi boxolo bayabuyisa.
12:21b.PRO.012.021 Ilungisa aliqubisani nobubi; Ke bona abangendawo bazele yinkxwaleko.
12:22b.PRO.012.022 Ungamasikizi kuYehova umlomo oxokayo; Abenza inyaniso ukholisiwe ngabo.
12:23b.PRO.012.023 Umntu onobuqili uyakugubungela ukwazi; Intliziyo yesinyabi ivakalisa ukumatha.
12:24b.PRO.012.024 Isandla sabakhutheleyo siyalawula; Ukudangala kufakwa uviko.
12:25b.PRO.012.025 Isithukuthezi esisentliziyweni yendoda siyenza igobe; Liyayivuyisa ilizwi elihle.
12:26b.PRO.012.026 Ilungisa lingumkhokeli kuwalo; Indlela yabangendawo iyabandwendwisa.
12:27b.PRO.012.027 Odangeleyo akayibhulisi inyamakazi yakhe; Ke ubuncwane obunqabileyo bomntu kukukhuthala.
12:28b.PRO.012.028 Busemendweni wobulungisa ubomi; Ukuyinyathela indlela yabo kukungafi.
13
13:1b.PRO.013.001 Unyana osisilumko uva uqeqesho lukayise; Ke yena umgxeki akeva kukhalinyelwa.
13:2b.PRO.013.002 Ngesiqhamo somlomo wayo indoda idla okulungileyo. Ke wona umnqweno wamanginingini kukugonyamela.
13:3b.PRO.013.003 Obambe umlomo wakhe ugcine umphefumlo wakhe; Owuthe qheke umlomo wakhe, yintshabalalo kuye leyo.
13:4b.PRO.013.004 Umphefumlo wevila uyanqwena, ungazuzi; Umphefumlo wabakhutheleyo uyatyetyiswa.
13:5b.PRO.013.005 Ilungisa liyithiyile into ebubuxoki; Yena ongendawo uyanukisa, enze okuziintloni.
13:6b.PRO.013.006 Ubulungisa bulondoloza ihambo egqibeleleyo; Okungendawo kuyamphenula umoni.
13:7b.PRO.013.007 Kukho ozenza isityebi, engenayo nento; Kukho ozenza isisweli, enobuncwane obuninzi.
13:8b.PRO.013.008 Ucamagusho lomphefumlo wendoda bubutyebi bayo; Isisweli asiva kusongelwa.
13:9b.PRO.013.009 Isikhanyiso samalungisa siyavuya; Ke sona isibane sabangendawo siyacima.
13:10b.PRO.013.010 Ngokukhukhumala kuvuka ukulwa kuphela; Ubulumko bunabavuma ukucetyiswa.
13:11b.PRO.013.011 Ubuncwane basebubhedengwini buya kuncipha; Ke yena obutha ngezipha, uyandisa.
13:12b.PRO.013.012 Ukulindela okubanjezelweyo kubulala intliziyo; Ungumthi wobomi umnqweno ofezekileyo.
13:13b.PRO.013.013 Odela ilizwi ubanjwa lilo; Owojika umthetho uyavuzwa.
13:14b.PRO.013.014 Umyalelo wesilumko lithende lobomi, Ukuze kumkiwe ezirhintyelweni zokufa.
13:15b.PRO.013.015 Ingqiqo entle ibanga ubukholwane; Indlela yamanginingini inzima.
13:16b.PRO.013.016 Bonke abanobuqili benza ngokwazi; Isinyabi siya kwaneka ukumatha.
13:17b.PRO.013.017 Umthunywa ongendawo weyela ebubini; Isigidimi esinyanisileyo siyaphilisa.
13:18b.PRO.013.018 Unobuhlwempu nocukucezo ophulukene noqeqesho; Osigcinileyo isohlwayo uyazukiswa.
13:19b.PRO.013.019 Umnqweno ofeziweyo unencasa emphefumlweni; Kulisikizi kwisinyabi ukumka ebubini.
13:20b.PRO.013.020 Ohamba nezilumko uba sisilumko naye; Ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa.
13:21b.PRO.013.021 Aboni basukelwa bububi; Ke wona amalungisa ayavuzwa kokulungileyo.
13:22b.PRO.013.022 Olungileyo ushiya ilifa kubazukulwana bakhe; Ubutyebi bomoni buqwetyelwe ilungisa.
13:23b.PRO.013.023 Umkhubelo wamahlwempu unokudla okuninzi; Kukho ophetshethwa kukungabi nabulungisa.
13:24b.PRO.013.024 Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe; Ke omthandayo umqeqesha esemncina ne.
13:25b.PRO.013.025 Ilungisa lidla ukuba kuhluthe umphefumlo walo; Ke sona isisu sabangendawo siyalamba.
14
14:1b.PRO.014.001 Ubulumko bomfazi buyayakha indlu yakhe; Ukumatha kuyayichitha ngezakhe izandla.
14:2b.PRO.014.002 Uhamba ngokuthe tye owoyika uYehova; Uthi gu bucala ngeendlela zakhe omdelayo.
14:3b.PRO.014.003 Lusemlonyeni wesimathane uswazi lwekratshi; Umlomo wezilumko uyazigcina.
14:4b.PRO.014.004 Apho kungekho nkomo, umkhombe wesitali uba ze; Indyebo eninzi iza ngamandla enkomo.
14:5b.PRO.014.005 Ingqina elinyanisileyo aliwathethi amanga; Ke lifutha amanga ingqina elixokayo.
14:6b.PRO.014.006 Umgxeki ufuna ubulumko, angabuzuzi; Ukwazi kulula konengqondo.
14:7b.PRO.014.007 Suka ebusweni bendoda esisinyabi; Akuyi kuza wafumana mlomo wokwazi kuyo.
14:8b.PRO.014.008 Ubulumko bonobuqili bukukuyiqonda indlela yakhe; Ukumatha kwezinyabi yinkohliso.
14:9b.PRO.014.009 Idini letyala liyazigxeka izimathane; Phakathi kwabathe tye yimvisiswano.
14:10b.PRO.014.010 Intliziyo iyabazi ubukrakra bayo ngokwayo; Omnye umntu akanakuzingenisa eluvuyweni lwayo.
14:11b.PRO.014.011 Indlu yabangendawo iyatshatyalaliswa; Ke intente yabathe tye iyatyatyamba.
14:12b.PRO.014.012 Kukho indlela ethe tye phambi komntu, Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.
14:13b.PRO.014.013 Nasekuhlekeni intliziyo inomvandedwa; Nokuphela kwalo uvuyo sisingqala.
14:14b.PRO.014.014 Uhlutha ziindlela zakhe ontliziyo ishenxileyo: Umntu olungileyo uhlutha zizenzo zakhe ngokwakhe.
14:15b.PRO.014.015 Isiyatha sikholwa ngamazwi onke; Onobuqili uyakuqonda ukunyathela kwakhe.
14:16b.PRO.014.016 Isilumko siyoyika, sisuke entweni embi; Isinyabi siphuphuma umsindo, sizithembile.
14:17b.PRO.014.017 Ozekanekayo wenza ukumatha; Indoda yamayelenqe ithiyekile.
14:18b.PRO.014.018 Ilifa leziyatha kukumatha; Abanobuqili banxiba isithsaba sokwazi.
14:19b.PRO.014.019 Abenzi bobubi basibekeka phambi kwabalungileyo; Abangendawo bema emasangweni amalungisa.
14:20b.PRO.014.020 Ihlwempu lithiywa nangummelwane walo; Ke bona abathanda isityebi baninzi.
14:21b.PRO.014.021 Omdelayo ummelwane wakhe uyona; Obabala abaziintsizana, hayi, uyolo lwakhe!
14:22b.PRO.014.022 Abayi kulahleka yini na abayila ububi? Inceba nenyaniso iba nabayila okulungileyo.
14:23b.PRO.014.023 Ekubulalekeni konke kubakho ungeniselo; Ke ukuthetha komlomo kubanga ukuswela kodwa.
14:24b.PRO.014.024 Busisithsaba sezilumko ubutyebi bazo; Ukumatha kwezinyabi kukumatha.
14:25b.PRO.014.025 Ingqina lenyaniso lihlangula imiphefumlo; Ke elifutha amanga liyinkohliso.
14:26b.PRO.014.026 Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele, Abantwana bakhe baba nendawo yokuzimela.
14:27b.PRO.014.027 Ukoyika uYehova lithende lobomi, Ukuze kusukwe ezirhintyelweni zokufa.
14:28b.PRO.014.028 Busebuninzini babantu ubungangamela bokumkani; Kusekupheleni koluntu ukutshabalala kwesidwangube.
14:29b.PRO.014.029 Ozeka kade umsindo unengqondo eninzi; Ke yena ozekanekayo ucaphula ukumatha.
14:30b.PRO.014.030 Bubomi benyama intliziyo epholileyo; Ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.
14:31b.PRO.014.031 Ocudisa isisweli ungcikiva uMenzi waso; Olibabalayo ihlwempu uyamzukisa.
14:32b.PRO.014.032 Ongendawo uyangqulwa bububi bakhe; Ke ilungisa linehlathi ekufeni kwalo.
14:33b.PRO.014.033 Entliziyweni yonengqondo buyaphumla ubulumko; Ke embilinini wesinyabi buyazazisa.
14:34b.PRO.014.034 Ubulungisa buyaluphakamisa uhlanga; Isono lihlazo lezizwe.
14:35b.PRO.014.035 Inkolelo yokumkani ikumkhonzi oqiqayo; Ukuphuphuma kwakhe umsindo kukowenza okuziintloni.
15
15:1b.PRO.015.001 Impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu; Ilizwi elidubulayo linyusa umsindo.
15:2b.PRO.015.002 Ulwimi lwezilumko lulungisa ukwazi; Umlomo wezinyabi umpompoza ukumatha.
15:3b.PRO.015.003 Asezindaweni zonke amehlo kaYehova, Ebonisela abanobubi nabalungileyo.
15:4b.PRO.015.004 Ukuphola kolwimi ngumthi wobomi; Ke ukuphenula kwalo kwaphula umoya.
15:5b.PRO.015.005 Isimathane sigiba uqeqesho lukayise; Osigcinileyo isohlwayo uba nobuqili.
15:6b.PRO.015.006 Indlu yelungisa nguvimba omkhulu; Ke ngongeniselo longendawo kukho ukuhlisa ishwangusha.
15:7b.PRO.015.007 Umlomo wezilumko uhlwayela ukwazi: Ke yona intliziyo yezinyabi ayindawo.
15:8b.PRO.015.008 Umbingelelo wabangendawo lisikizi kuYehova; Umthandazo wabathe tye ngowona akholwa nguwo.
15:9b.PRO.015.009 Ilisikizi kuYehova indlela yongendawo; Ke ophuthuma ubulungisa uyathandwa nguye.
15:10b.PRO.015.010 Uqeqesho olubi lolowushiyayo umendo; Othiya isohlwayo uya kufa.
15:11b.PRO.015.011 Elabafileyo nenzonzobila ziphambi koYehova; Zibeke phi na ke iintliziyo zoonyana babantu!
15:12b.PRO.015.012 Umgxeki akakuthandi ukohlwaywa kwakhe, Akayi kwizilumko.
15:13b.PRO.015.013 Intliziyo evuyileyo iyabuchwayithisa ubuso; Ekubulalekeni kwentliziyo umoya uthi dakumba.
15:14b.PRO.015.014 Intliziyo enengqondo ifuna ukwazi; Umlomo wesinyabi usukelana nokumatha.
15:15b.PRO.015.015 Yonke imihla yosizana mibi; Intliziyo echwayithileyo inesidlo ngamaxesha onke.
15:16b.PRO.015.016 Ilungile intwana encinane kunye nokoyika uYehova, Ngaphezu kwendyebo eninzi kunye nokuxhalaba.
15:17b.PRO.015.017 Ulungile umxhesho womfuno kunye nothando, Ngaphezu kwenkomo etyetyisiweyo kunye nentiyo.
15:18b.PRO.015.018 Indoda enobushushu ixhaya ingxabano; Ezeka kade umsindo idambisa imbambano.
15:19b.PRO.015.019 Indlela yevila ngathi ibiyelwe ngemitholo; Ke umendo wabathe tye ubekelelwe.
15:20b.PRO.015.020 Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise; Umntu osisinyabi udela unina.
15:21b.PRO.015.021 Ukumatha luvuyo koswele intliziyo; Ke indoda enengqondo ithi tye ukuhamba.
15:22b.PRO.015.022 Iingcinga ziyatshitsha ngokungabikho kokucweya; Ke zona zima ngamaphakathi amaninzi.
15:23b.PRO.015.023 Indoda inovuyo ngempendulo yomlomo wayo; Ilizwi elithethwe ngexa elililo, azi lihle!
15:24b.PRO.015.024 Koqiqayo umendo wobomi usinga phezulu, Ukuze emke kwelabafileyo elingaphantsi.
15:25b.PRO.015.025 UYehova uyayincothula indlu yabanekratshi, Amise umlimandlela womhlolokazi.
15:26b.PRO.015.026 Zingamasikizi kuYehova iingcinga ezimbi; Ke ahlambulukile amazwi amnandi.
15:27b.PRO.015.027 Uyihlisela ishwangusha indlu yakhe obawela inzuzo embi; Ke yena othiya isicengo, uya kuphila.
15:28b.PRO.015.028 Intliziyo yelungisa iya kucamanga ukuphendula; Ke wona umlomo wabangendawo umpompoza ububi.
15:29b.PRO.015.029 UYehova ukude nabangendawo; Ke wona umthandazo wamalungisa uyawuva.
15:30b.PRO.015.030 Ukukhanya kwamehlo kuvuyisa intliziyo; Iindaba ezimnandi zityebisa amathambo.
15:31b.PRO.015.031 Indlebe esivayo isohlwayo sobomi Ihlala phakathi kwezilumko.
15:32b.PRO.015.032 Ophulukene noqeqesho ucekisa umphefumlo wakhe; Osivayo isohlwayo urhweba ukuqonda.
15:33b.PRO.015.033 Ukoyika uYehova luqeqesho lobulumko; Ngaphambi kozuko lululamo.
16
16:1b.PRO.016.001 Zezomntu izicwangciso zentliziyo; Ke yona impendulo yolwimi ivela kuYehova.
16:2b.PRO.016.002 Zonke iindlela zendoda ziqaqambile kwawayo amehlo; Ke yena umlinganisi womoya nguYehova.
16:3b.PRO.016.003 Qengqela kuYehova izenzo zakho, Zizimaseke iingcinga zakho.
16:4b.PRO.016.004 Zonke izinto uYehova uzenzele intsingiselo yakhe, Kwanongendawo umenzele imini yobubi.
16:5b.PRO.016.005 Balisikizi kuYehova bonke abantliziyo izidlayo; Kakade ke, ababi msulwa.
16:6b.PRO.016.006 Ngenceba nenyaniso buyacanyagushelwa ubugwenxa; Ngokoyika uYehova umntu uyatyeka ebubini.
16:7b.PRO.016.007 Ekukholisweni kukaYehova ziindlela zendoda, Uyixolelanisa neentshaba zayo nayo.
16:8b.PRO.016.008 Ilungile intwana encinane enobulungisa, Ngaphezu kolungiselo oluninzi olukunye nokungesesikweni.
16:9b.PRO.016.009 Intliziyo yomntu icinga indlela yakhe; NguYehova oyalela ukunyathela kwakhe.
16:10b.PRO.016.010 Izihlabo zisemilebeni yomlomo wokumkani: Mawungamenezi esikweni umlomo wakhe.
16:11b.PRO.016.011 Isilinganiso nesikali esisesikweni sesika Yehova; Asisenzo sakhe onke amatye asengxoweni.
16:12b.PRO.016.012 Lisikizi kubo ookumkani ukwenza okungendawo, Kuba itrone izinziswa bubulungisa.
16:13b.PRO.016.013 Ukumkani uyakholiswa ngumlomo wobulungisa; Othetha okuthe tye uyathandwa.
16:14b.PRO.016.014 Ubushushu bokumkani buzizithunywa zokufa; Ke indoda elumkileyo iyamcamagusha.
16:15b.PRO.016.015 Ekukhanyeni kobuso bokumkani bubomi; Okuthandwa nguye kunjengelifu lemvula yasekwindla.
16:16b.PRO.016.016 Ukurhweba ubulumko kungakanani na ukulunga kwako, ngaphezu kwegolide embiweyo! Nokurhweba ingqondo kungakanani na ukunyuleka kwako, ngaphezu kwesilivere!
16:17b.PRO.016.017 Umendo wabathe tye kukutyeka ebubini; Ulondoloza umphefumlo wakhe ogcina indlela yakhe.
16:18b.PRO.016.018 Ikratshi likhokela intshabalalo; Ukuzidla kukhokela ukukhubeka.
16:19b.PRO.016.019 Kulungile ukuba nomoya othobekileyo phakathi kwabalulamileyo, Ngaphezu kokwaba amaxhoba nabanekratshi.
16:20b.PRO.016.020 Oliqiqayo ilizwi uya kufumana okulungileyo; Okholose ngoYehova, hayi, uyolo lwakhe!
16:21b.PRO.016.021 Ontliziyo ilumkileyo kuthiwa unengqondo; Nobumnandi bomlomo bongeza imfundiso.
16:22b.PRO.016.022 Lithende lobomi ingqiqo kumniniyo; Ke lona uqeqesho lwezimathane kukumatha kwazo.
16:23b.PRO.016.023 Intliziyo yesilumko iyawuqiqisa umlomo waso, Yongeze imfundiso emilebeni yomlomo waso.
16:24b.PRO.016.024 Linqatha lobusi amazwi amnandi, Ayincasa emphefumlweni, ayimpiliso emathanjeni.
16:25b.PRO.016.025 Kukho indlela ethe tye phambi komntu, Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.
16:26b.PRO.016.026 Ukulamba komxelengi kuyamxelengela, Ngokuba umlomo wakhe uyamqhuba.
16:27b.PRO.016.027 Umntu olitshijolo umba ububi: Emlonyeni wakhe ngathi ngumlilo otshisayo.
16:28b.PRO.016.028 Indoda ephendukayo ingenisa ingxabano; Nentlebi yahlula amakholwane.
16:29b.PRO.016.029 Indoda egonyamelayo ihenda ummelwane wayo, Imhambise ngendlela engalungileyo.
16:30b.PRO.016.030 Ocima amehlo akhe, kukuba acinge impenduka; Oluma umlomo wakhe ugqibe ububi.
16:31b.PRO.016.031 Isithsaba sokuhomba zizimvi, Sifunyanwa endleleni yobulungisa.
16:32b.PRO.016.032 Ozeka kade umsindo ulunge ngaphezu kwegorha; Okulawulayo ukufutha kwakhe ulunge ngaphezu kothimba umzi.
16:33b.PRO.016.033 Umntu uphosa iqashiso esondweni lengubo, Ke ukugqitywa kwalo konke kunoYehova.
17
17:1b.PRO.017.001 Iqhekeza elomileyo lesonka, kunye nokuchulumacha, lilungile Ngaphezu kwendlu ezele yimibingelelo, enembambano.
17:2b.PRO.017.002 Umkhonzi onengqiqo uya kumlawula unyana owenza okuziintloni, Ahlule ilifa phakathi kwabazalwana.
17:3b.PRO.017.003 Ukhamba lolokunyibilikisa isilivere; iziko lelokunyibilikisa igolide; Umcikidi weentliziyo nguYehova.
17:4b.PRO.017.004 Onobubi uwubazela indlebe umlomo onenkohliso, Uphulaphula ubuxoki obuselulwimini olweyeliselayo.
17:5b.PRO.017.005 Ogculela ihlwempu ungcikiva uMenzi walo; Ovuyela inkxwaleko akabi msulwa.
17:6b.PRO.017.006 Isithsaba samadoda amakhulu ngoonyana boonyana; Isihombo soonyana ngooyise.
17:7b.PRO.017.007 Ayisifanele isidenge intetho ekhukhumeleyo; Yobeka phi na ke ukungalifaneli inene intetho ebubuxoki.
17:8b.PRO.017.008 Sililitye elinqabileyo emehlweni omninilo isicengo, Apho asukuba ebheka khona, wenza ngengqiqo.
17:9b.PRO.017.009 Ugubungela isikreqo ofuna uthando; Ophinda ayithethe into wahlula amakholwane.
17:10b.PRO.017.010 Ukukhalinyelwa kuyangena konengqondo Ngaphezu kwemivumbo elikhulu kosisinyabi.
17:11b.PRO.017.011 Oneenkani ufuna ububi bodwa; Ngoko ke uthunyelwa umthunywa osisijorha.
17:12b.PRO.017.012 Kanye qubisana nebhere ehluthwe amathole ayo, Ungaqubisani nesinyabi ekumatheni kwaso.
17:13b.PRO.017.013 Obuyekeza okubi esikhundleni sokulungileyo, Abuyi kusuka ububi endlwini yakhe.
17:14b.PRO.017.014 Kukuvulela amanzi ukuqala kwengxabano; Yiyeke imbambano kungekavunganyewana.
17:15b.PRO.017.015 Omgwebelayo ongendawo, kwanoligwebayo ilungisa, Bangamasikizi kuYehova bobabini.
17:16b.PRO.017.016 Lelokwenzani na inani elisesandleni sesinyabi, lokurhweba ubulumko, Singenantliziyo nje?
17:17b.PRO.017.017 Umhlobo uthanda ngamaxesha onke; Umzalwana uzalelwe imbandezelo.
17:18b.PRO.017.018 Umntu oswele intliziyo ngobambana nomnye ngesandla, Ngomela umelo phambi kowabo.
17:19b.PRO.017.019 Uthanda ukreqo othanda ukulwa; Owuphakamisayo umnyango wakhe ufuna ukuqhekeka.
17:20b.PRO.017.020 Ontliziyo ijibilizayo akayi kukufumana okulungileyo; Ophenduka ngolwimi lwakhe weyela ebubini.
17:21b.PRO.017.021 Ozala isinyabi uzizalela isingqala; Akanaluvuyo uyise wesidenge.
17:22b.PRO.017.022 Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise; Umoya odakumbileyo uyawomisa amathambo.
17:23b.PRO.017.023 Ongendawo wamkela isicengo esivela esondweni lengubo, Ukuze agqwethe indlela esesikweni.
17:24b.PRO.017.024 Ubuso bonengqondo bubheke ebulumkweni; Ke amehlo esinyabi asekupheleni kwehlabathi.
17:25b.PRO.017.025 Ububuhlungu bukayise unyana osisinyabi; Ububukrakra kumzalikazi wakhe.
17:26b.PRO.017.026 Akulungile ukuhlawulisa nelungisa, Nokubetha amanene ngenxa yokuthe tye.
17:27b.PRO.017.027 Owanqandayo amazwi akhe unokwazi: Omoya upholileyo yindoda enengqondo.
17:28b.PRO.017.028 Kwanesimathane, ukuba sihleli sathi tu, kuthiwa sisilumko; Singawuvingca umlomo waso, kuthiwa sinengqondo.
18
18:1b.PRO.018.001 Ozahlulayo ufuna umnqweno wakhe; Into yonke ezimasayo uyayivungamela.
18:2b.PRO.018.002 Isinyabi asikunanzile ukuqonda; Ke sinanze ukuzityhila kwentliziyo yaso.
18:3b.PRO.018.003 Ekuzeni kongendawo kuza ukudela, Ukungcikiva, nokucukuceza.
18:4b.PRO.018.004 Ngamanzi anzulu amazwi omlomo wendoda, Ngumlanjana obalekayo, lithende lobulumko.
18:5b.PRO.018.005 Ukukhetha ubuso bongendawo akulungile; Nokugqwetha ilungisa ekuthetheni ityala.
18:6b.PRO.018.006 Imilebe yomlomo wesinyabi ingena ekubambaneni, Nomlomo waso ubiza amanqindi.
18:7b.PRO.018.007 Umlomo wesinyabi uyasitshabalalisa, Nemilebe yomlomo waso sisirhintyelo somphefumlo waso.
18:8b.PRO.018.008 Amazwi entlebi yimithamo emnandi; Yona ihla iye ezingontsini zombilini.
18:9b.PRO.018.009 Nohilizayo eshishinini lakhe Ngumninawa kaSokonakalisa.
18:10b.PRO.018.010 Yinqaba ende eliqele igama likaYehova; Ilungisa ligidimela kulo, libe sengxondeni.
18:11b.PRO.018.011 Ubuncwane besityebi sisixeko saso esiliqele; Bunjengodonga oluphakamileyo emabhongweni aso.
18:12b.PRO.018.012 Phambi kwentshabalalo iyazidla intliziyo yendoda; Phambi kozuko lululamo.
18:13b.PRO.018.013 Ophendula ilizwi engekeva, Kukumatha oko kuye, nehlazo.
18:14b.PRO.018.014 Umoya wendoda uyasinyamezela isifo sayo; Ke umoya odakumbileyo, ngubani na ongawuthwalayo?
18:15b.PRO.018.015 Intliziyo yonengqondo irhweba ukwazi; Nendlebe yezilumko ifuna ukwazi.
18:16b.PRO.018.016 Isipho somntu siyamgabulela, Simse phambi kwabakhulu.
18:17b.PRO.018.017 Unga ulilungisa oqalelayo etyaleni lakhe: Uza ummelwane wakhe, amgocagoce.
18:18b.PRO.018.018 Liphelisa ingxabano iqashiso, Libahlule abanamandla.
18:19b.PRO.018.019 Umzalwana ekukreqiweyo kuye ulukhuni ngaphezu kwesixeko esiliqele, Neengxabano zinjengomvalo woxande olude.
18:20b.PRO.018.020 Ngesiqhamo somlomo wendoda uyahlutha umbilini wayo; Iyahlutha ngongeniselo lomlomo wayo.
18:21b.PRO.018.021 Ukufa nokuphila kusemandleni olwimi; Abaluthandayo baya kudla isiqhamo salo.
18:22b.PRO.018.022 Othe wafumana umfazi, ufumene okulungileyo; Uzuze okulikholo kuYehova.
18:23b.PRO.018.023 Ihlwempu lithetha ngezibongozo; Isityebi siphendula ngokulukhuni.
18:24b.PRO.018.024 Indoda enezihlobo iyachithwa; Kukho sithandwa sinamathelayo kunomzalwana.
19
19:1b.PRO.019.001 Lilungile ihlwempu elihamba ngengqibelelo yalo, Ngaphezu komlomo ojibilizayo, esisinyabi yena.
19:2b.PRO.019.002 Kananjalo ukuthi umphefumlo ungabi nakwazi akulungile; Onyawo zingxamileyo uyayiphosa indlela.
19:3b.PRO.019.003 Ukumatha komntu kuphenula indlela yakhe; Ijalele uYehova intliziyo yakhe.
19:4b.PRO.019.004 Ukutyeba kongeza izihlobo ezininzi; Ke osweleyo, nesihlobo sakhe siyahlukana naye.
19:5b.PRO.019.005 Ingqina elixokayo alibi msulwa; Ofutha amanga akasindi.
19:6b.PRO.019.006 Baninzi abacenga amanene; Yonke into isisihlobo kwindoda ephayo.
19:7b.PRO.019.007 Bonke abazalwana behlwempu balithiyile; Zibeka phi na izihlobo ukuya kude kulo! Lisukela amazwi angento.
19:8b.PRO.019.008 Orhweba ubulumko uthanda umphefumlo wakhe; Ogcina ingqondo uya kufumana okulungileyo.
19:9b.PRO.019.009 Ingqina elixokayo alibi msulwa; Ofutha amanga uyatshabalala.
19:10b.PRO.019.010 Akusifanele isinyabi ukudla ubuncwane; Kobeka phi na ke ukungamfaneli umkhonzi ukulawula abathetheli!
19:11b.PRO.019.011 Ingqiqo yomntu imenza azeke kade umsindo; Sisihombo sakhe ukulugqitha ukreqo.
19:12b.PRO.019.012 Kukugquma kwengonyama entsha ukujala kokumkani; Sinjengombethe emfunweni isisa sakhe.
19:13b.PRO.019.013 Ngumeyeliselo kuyise unyana osisinyabi; Luqhoqhozo oluxikileyo ingxabano yomfazi.
19:14b.PRO.019.014 Indlu nobutyebi lilifa looyise; Ke yena umfazi onengqondo uvela kuYehova.
19:15b.PRO.019.015 Ubuvila buwisela ebuthongweni obukhulu; Umphefumlo odangeleyo uyalamba.
19:16b.PRO.019.016 Ogcine umthetho ugcine umphefumlo wakhe; Ozidelayo iindlela zakhe uya kufa.
19:17b.PRO.019.017 Uboleka uYehova obabala isisweli; Umbuyekeza ukuphatha kwakhe okuhle.
19:18b.PRO.019.018 Mqeqeshe unyana wakho, xa kusekho ithemba; Kodwa ungangxameli kumbulala.
19:19b.PRO.019.019 Onomsindo omkhulu umelwe kukuhlawula; Kuba xa uthe wamhlangula, woba mandundu.
19:20b.PRO.019.020 Live icebo, ulwamkele uqeqesho, Ukuze ulumke ngexesha elizayo.
19:21b.PRO.019.021 Zininzi iingcinga entliziyweni yomntu; Noko ke licebo likaYehova eliya kuma.
19:22b.PRO.019.022 Umnqweno womntu yinceba yakhe; Ke lilungile ihlwempu ngaphezu kwendoda enamanga.
19:23b.PRO.019.023 Ukoyika uYehova kusa ebomini; Onako uya kuhlala ehluthi.
19:24b.PRO.019.024 Ivila lisifake isandla salo esityeni, Alibi sasibuyisela emlonyeni walo.
19:25b.PRO.019.025 Umbethile umgxeki, siba nobuqili isiyatha; Umohlwayile onengqondo, woqonda azi.
19:26b.PRO.019.026 Ombhuqayo uyise, omgxothayo unina, Ngunyana owenza okuziintloni, ongcikivayo.
19:27b.PRO.019.027 Yeka, nyana wam, ukuthi uve uqeqesho, Kanti uya kusuka ulahlekane nentetho yokwazi.
19:28b.PRO.019.028 Ingqina elilitshijolo ligxeka isiko; Umlomo wongendawo uginya ubutshinga.
19:29b.PRO.019.029 Izigwebo zilungiselwe abagxeki; Imivumbo ilungiselwe umhlana wesinyabi.
20
20:1b.PRO.020.001 Ingumgxeki iwayini, singumxokozeli isiselo esinxilisayo; Bonke abayotywe yiyo abalumkile.
20:2b.PRO.020.002 Ngumgqumo onjengowengonyama entsha umothuso wokumkani; Omqumbisayo wona umphefumlo wakhe.
20:3b.PRO.020.003 Kuluzuko endodeni ukuhlalela kude nengxabano; Ke zona izimathane zonke ziyavungama.
20:4b.PRO.020.004 Ebusika ivila alilimi; Liyafuna ngexa lokuvuna, kungabikho nto.
20:5b.PRO.020.005 Ngamanzi anzulu icebo entliziyweni yendoda, Kanti indoda enengqondo iyalirhola.
20:6b.PRO.020.006 Uninzi lwesintu luyayihlangabeza indoda enenceba kulo; Ke yona indoda enyanisileyo, ngubani na ongayifumanayo?
20:7b.PRO.020.007 Ohamba ngengqibelelo yakhe elilungisa, Hayi, uyolo loonyana bakhe emva kwakhe!
20:8b.PRO.020.008 Ukumkani, ehleli esihlalweni sokugweba, Uchithachitha ububi bonke ngamehlo akhe.
20:9b.PRO.020.009 Ngubani na ongathi, Ndiyiqaqambisile intliziyo yam, Ndihlambulukile esonweni sam?
20:10b.PRO.020.010 Amatye ngamatye, iiefa ngee-efa, Ngamasikizi kuYehova ezo nto zombini.
20:11b.PRO.020.011 Nenkwenkwe iyazazisisa ngeentlondi zayo, Nokuba kuqaqambile na, nokuba kuthe tye na, ukwenza kwayo.
20:12b.PRO.020.012 Indlebe evayo, neliso elibonayo, UYehova uzenzile ezo zinto zombini.
20:13b.PRO.020.013 Musa ukuthanda ubuthongo, hleze uhlwempuzeke; Vula amehlo akho, uhluthe kukudla.
20:14b.PRO.020.014 Imbi, imbi! utsho othengayo; Emke, andule aqhayise.
20:15b.PRO.020.015 Kukho igolide, neekorale ezininzi; Ke yona impahla enqabileyo ngumlomo onokwazi.
20:16b.PRO.020.016 Thabatha ingubo yakhe omele omnye; Menze isibambiso ngenxa yabasemzini.
20:17b.PRO.020.017 Sinencasa endodeni isonka sobuxoki; Ke emveni koko umlomo wayo uzala luhlalu.
20:18b.PRO.020.018 Iingcinga zizinyaswa yingcebiswano; Yilwa imfazwe unecebo elilungileyo.
20:19b.PRO.020.019 Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo; Ungadibani nepholopholo.
20:20b.PRO.020.020 Otshabhisa uyise nonina, Isibane sakhe sicima ebumnyameni phakathi.
20:21b.PRO.020.021 Ilifa elizuzwe buphuthuphuthu ekuqaleni, Ukuphela kwalo akunantsikelelo.
20:22b.PRO.020.022 Musa ukuthi, Ndiya kubuphindezela ububi; Thembela kuYehova, wokusindisa.
20:23b.PRO.020.023 Ngamasikizi kuYehova amatye ngamatye; Nesikali esikhohlisayo asilungile.
20:24b.PRO.020.024 Kuvela kuYehova ukunyathela kwendoda; Umntu angathini na ukuyiqonda indlela yakhe?
20:25b.PRO.020.025 Sisirhintyelo emntwini ukufumana athi, Ingcwele, Aze aqale emva kwesibhambathiso, aphicothe.
20:26b.PRO.020.026 Uchithachitha abangendawo ukumkani olumkileyo, Aguqulele phezu kwabo umlenze wenqwelo.
20:27b.PRO.020.027 Sisibane sikaYehova umphefumlo womntu, Siphengulula zonke iingontsi zombilini.
20:28b.PRO.020.028 Inceba nenyaniso ilondoloza ukumkani; Uyixhasa itrone yakhe ngenceba.
20:29b.PRO.020.029 Isihombo samadodana ngamandla awo; Ubuhle bamadoda amakhulu zizimvi.
20:30b.PRO.020.030 Imivumbo etyabulayo iguxa ububi; Izibetho ziguxa iingontsi zombilini.
21
21:1b.PRO.021.001 Yimijelo yamanzi intliziyo yokumkani esandleni sikaYehova; Uyibhekisa apho asukuba ethande khona.
21:2b.PRO.021.002 Zonke iindlela zendoda zithe tye kwawayo amehlo; Umlinganisi weentliziyo nguYehova.
21:3b.PRO.021.003 Ukwenza ubulungisa nokusesikweni Kunyulekile kuYehova ngaphezu kombingelelo.
21:4b.PRO.021.004 Ukuqwayinga kwamehlo, nokugungubala kwentliziyo, Kwanokukhubela kwabangendawo, kusisono.
21:5b.PRO.021.005 Iingcinga zabakhutheleyo zisingisa elungeniselweni lodwa; Konke ukungxama kusingisa entswelweni yodwa.
21:6b.PRO.021.006 Ukuzuza ubuncwane ngolwimi oluxokayo Ngumphunga ophephethekayo wabafuna ukufa.
21:7b.PRO.021.007 Ukubhuqa kwabangendawo kuyabaqweqwedisa; Ngokuba abavumi ukwenza okusesikweni.
21:8b.PRO.021.008 Iligoso-goso indlela yendoda enetyala; Ke yena ohlambulukileyo, umsebenzi wakhe uthe tye.
21:9b.PRO.021.009 Kulungile ukuhlala elungqamekweni oluphezu kwendlu, Kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onengxabano.
21:10b.PRO.021.010 Umphefumlo wongendawo unqwenela ububi; Amehlo akhe akambabali ummelwane wakhe.
21:11b.PRO.021.011 Ekuhlawulisweni komgxeki siyalumka isiyatha; Ekuqiqisweni kwaso, isilumko samkela ukwazi.
21:12b.PRO.021.012 Ilungisa liyayiqiqa indlu yongendawo. Libaphenulela ebubini abangendawo.
21:13b.PRO.021.013 Ovingca iindlebe zakhe ekukhaleni kwesisweli, Naye uya kubiza, angaviwa.
21:14b.PRO.021.014 Isipho entsithelweni sinqanda umsindo, Isicengo esondweni lengubo sinqanda umsindo onamandla.
21:15b.PRO.021.015 Kuluvuyo kwilungisa ukwenza okusesikweni; Kuqhiphula umbilini kubasebenzi bobutshinga.
21:16b.PRO.021.016 Umntu ondwendwayo, emke endleleni yengqiqo, Uya kuhlala esikhungwini sabafileyo.
21:17b.PRO.021.017 Othanda imigcobo uba yindoda esweleyo; Othanda iwayini neoli akabi sisityebi.
21:18b.PRO.021.018 Ongendawo lucamagusho ngenxa yelungisa; Inginingini lisesikhundleni sabathe tye.
21:19b.PRO.021.019 Kulungile ukuhlala ezweni eliyintlango, Kunokuhlala nomfazi onengxabano neengqumbo.
21:20b.PRO.021.020 Ubuncwane obunqwenelekayo neoli zisekhayeni lesilumko; Ke umntu osisinyabi uyaziginya azigqibe.
21:21b.PRO.021.021 Ophuthuma ubulungisa nenceba Wofumana ubomi nobulungisa nozuko.
21:22b.PRO.021.022 Isilumko siyaqabela emzini wamagorha, Siyiwise inqaba ekukholoswe ngayo.
21:23b.PRO.021.023 Ogcine umlomo wakhe nolwimi lwakhe Ugcina umphefumlo wakhe ezingxingongweni.
21:24b.PRO.021.024 Umkhukhumali oligagadele, ngumgxeki igama lakhe; Ngowenza ngokukhukhumala okuphuphumayo.
21:25b.PRO.021.025 Umnqweno wevila uyalibulala, Kuba izandla zalo azivumi kusebenza.
21:26b.PRO.021.026 Imini yonke linqwena linqwenile, Ke lona ilungisa liyapha lingavimbi.
21:27b.PRO.021.027 Umbingelelo wabangendawo lisikizi; Kobeka phi na ke bakuwuzisa ngenxa yamanyala!
21:28b.PRO.021.028 Ingqina elinamanga liyatshabalala; Ke yona indoda evayo ithetha kuphele.
21:29b.PRO.021.029 Indoda engendawo iyingwanyalala ubuso; Ngothe tye oyiqondayo indlela yakhe.
21:30b.PRO.021.030 Akukho bulumko, akukho ngqondo, Akukho cebo malungana noYehova.
21:31b.PRO.021.031 Ihashe lilungiselwa imini yokulwa, Ke usindiso lona lunoYehova.
22
22:1b.PRO.022.001 Igama elilungileyo linokunyulwa ngaphezu kobutyebi obuninzi; Isimilo esilungileyo silunge ngaphezu kwesilivere negolide.
22:2b.PRO.022.002 Ziyaqubisana izityebi namahlwempu; Umenzi wabo bonke nguYehova.
22:3b.PRO.022.003 Onobuqili ubona into embi, azifihle; Ke zona iziyatha ziya kugqitha kuyo, zihlawuliswe.
22:4b.PRO.022.004 Umvuzo wolulamo kukoyika uThixo, Bubutyebi, nozuko, nobomi.
22:5b.PRO.022.005 Ngameva nezibatha, endleleni yojibilizayo; Ogcine umphefumlo wakhe makadede kuzo.
22:6b.PRO.022.006 Mfundise umntwana ngendlela efanele umntwana; Naxa athe wamkhulu, akasayi kumka kuyo.
22:7b.PRO.022.007 Isityebi siya kuwalawula amahlwempu; Nobolekayo ngumkhonzi endodeni embolekayo.
22:8b.PRO.022.008 Ohlwayela ubugqwetha, wovuna ubutshinga, Nentonga yokuphuphuma kwakhe umsindo yophela.
22:9b.PRO.022.009 Oliso linobubele nguye osikelelekayo; Kuba kwisonka sakhe upha isisweli.
22:10b.PRO.022.010 Gxotha umgxeki, iphume ingxabano, Kuthi bembe amaphike nokucukuceza.
22:11b.PRO.022.011 Othanda ukuhlambuluka kwentliziyo, Omlomo unobabalo, umhlobo wakhe ngukumkani.
22:12b.PRO.022.012 Amehlo kaYehova alondoloza ukwazi, Aphenule intetho yenginingini.
22:13b.PRO.022.013 Ivila lithi, Kukho ingonyama phandle, Ndoncinithwa ezitratweni.
22:14b.PRO.022.014 Sisihogo esinzulu umlomo wabafazi abangengabo; Obhavunyelwa nguYehova weyela khona.
22:15b.PRO.022.015 Ukumatha kubotshiwe entliziyweni yomntwana; Intonga yokuqeqesha yokumkisa kuye.
22:16b.PRO.022.016 Ocudisa isisweli, ukuba andise okwakhe, Nonika isityebi, uhlelwa yintswelo kuphela.
22:17b.PRO.022.017 Thoba indlebe yakho, uve amazwi ezilumko, Uyibhekise intliziyo yakho ekwazini kwam.
22:18b.PRO.022.018 Ngokuba kumnandi, xa uthe wawagcina embilinini; Makeme onke ephelele emlonyeni wakho.
22:19b.PRO.022.019 Ukuze ukholose ngoYehova, Ndikwazisile namhla wena lo.
22:20b.PRO.022.020 Andikubhalelanga na iintetho eziyintloko, Ezineengcebiso nokwazi,
22:21b.PRO.022.021 Ukuze ndikwazise isilinganiselo samazwi enyaniso, Ukuze ubuye kwabakuthumileyo, uze namazwi ayinyaniso?
22:22b.PRO.022.022 Musa ukusihlutha isisweli ngakuba sisisweli, Ungamtyumzi olusizana esangweni;
22:23b.PRO.022.023 Kuba uYehova eya kubambana nababambene nabo, Awonakalise umphefumlo wabonakalisa bona.
22:24b.PRO.022.024 Musa ukuqhelana nomntu onomsindo, Ungahambi nendoda enobushushu,
22:25b.PRO.022.025 Hleze ufunde iindlela zayo, Urhintyelise umphefumlo wakho.
22:26b.PRO.022.026 Musa ukuba phakathi kwababambana nomnye ngesandla, Phakathi kwabamela into ebolekiweyo.
22:27b.PRO.022.027 Ukuba uthe akwaba nanto yakuhlawula, Yini na ukuba athabathe ukhuko lwakho phantsi kwakho?
22:28b.PRO.022.028 Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala, Abawenzayo ooyihlo.
22:29b.PRO.022.029 Uyayibona indoda eyinkunkqele eshishinini layo? Inokuma phambi kokumkani; Ayinakuma phambi kwabantu abangenagama.
23
23:1b.PRO.023.001 Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli, Qonda uqonde lowo uphambi kwakho;
23:2b.PRO.023.002 Ubeke isitshetshe emqaleni wakho, Ukuba ungumntu onombilini.
23:3b.PRO.023.003 Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa; Kukudla kwenkohliso.
23:4b.PRO.023.004 Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi; Yeka okwakho ukuqonda.
23:5b.PRO.023.005 Amehlo akho uya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje? Kuba bona buzenzela amaphiko, Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.
23:6b.PRO.023.006 Musa ukudla ukudla koliso libi, Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa;
23:7b.PRO.023.007 Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa unjalo yena; Uthi kuwe, Yidla usele, Ukanti intliziyo yakhe ayinawe;
23:8b.PRO.023.008 Umthamo wakho owudlileyo uya kuwuhlanza, Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi.
23:9b.PRO.023.009 Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi; Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho.
23:10b.PRO.023.010 Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala; Ungangeni emasimini eenkedama;
23:11b.PRO.023.011 Kuba umkhululi wazo womelele; Wobambana nawe yena ngobambano lwazo.
23:12b.PRO.023.012 Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni, Neendlebe zakho entethweni yokwazi.
23:13b.PRO.023.013 Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni; Ukuba uthe wambetha ngentonga akayi kufa.
23:14b.PRO.023.014 Wombetha ngentonga, Uhlangule umphefumlo wakhe kwelabafileyo.
23:15b.PRO.023.015 Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho. Yovuya intliziyo yam, kwaeyam lo,
23:16b.PRO.023.016 Zidlamke izintso zam Ekuthetheni komlomo wakho okuthe tye.
23:17b.PRO.023.017 Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni; Ke mayizonde ukoyika uYehova imini yonke;
23:18b.PRO.023.018 Inene, kukho ikamva, Nethemba lakho aliyi kunqunyulwa.
23:19b.PRO.023.019 Yiva, wena nyana wam, ulumke, Uyinyathelise intliziyo yakho ithi gca endleleni.
23:20b.PRO.023.020 Musa ukuba phakathi kwamasela-wayini, Naphakathi kwamadla-kudla;
23:21b.PRO.023.021 Kuba isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka; Kona ukozela kwambesa amajacu.
23:22b.PRO.023.022 Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo, Ungamdeli unyoko akuba mkhulu.
23:23b.PRO.023.023 Thenga inyaniso, ungathengisi ngayo; Nobulumko, noqeqesho, nengqondo.
23:24b.PRO.023.024 Ugcoba kakhulu uyise welungisa; Ozele isilumko uyavuya ngaso.
23:25b.PRO.023.025 Makavuye uyihlo nonyoko, Agcobe umfazi owakuzalayo.
23:26b.PRO.023.026 Ndinike intliziyo yakho, nyana wam, Amehlo akho akholiswe ziindlela zam.
23:27b.PRO.023.027 Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi, Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga.
23:28b.PRO.023.028 Ude alale njengesihange, Awandise amanginingini eluntwini.
23:29b.PRO.023.029 Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano? Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu? Anabani na amehlo anozizi?
23:30b.PRO.023.030 Anabo balibala ewayinini, Abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo.
23:31b.PRO.023.031 Musa ukuyikhangela iwayini, xa izenza ingqombela, Xa ibengezelayo endebeni, Xa ihla kamnandi;
23:32b.PRO.023.032 Ukuphela kwayo iluma njengenyoka, Iluma njengerhamba.
23:33b.PRO.023.033 Amehlo akho aya kubona izinto zasemzini, Intliziyo yakho ithethe impenduka;
23:34b.PRO.023.034 Ube njengolele esazulwini solwandle, Nanjengolele encotsheni yemasti;
23:35b.PRO.023.035 Uthi, Bandibetha, andeva ntlungu; Bandintlitha, andaba nanto ndiyaziyo; Ndiya kuvuka nini na? Ndiya kuphinda ke, ndiya kubuya ndiyifune.
24
24:1b.PRO.024.001 Musa ukubamonela abantu abanobubi; Ungakunqweneli ukuba uhlale nabo.
24:2b.PRO.024.002 Kuba intliziyo yabo icamanga ukubhuqa, Nomlomo wabo uthetha ngokwaphula.
24:3b.PRO.024.003 Indlu yona yakhiwa ngobulumko; Izinziswe ngengqondo;
24:4b.PRO.024.004 Ngokwazi kuzaliswa amaqonga Bubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi.
24:5b.PRO.024.005 Umfo osisilumko unamandla, Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu;
24:6b.PRO.024.006 Ngokuba, ukhokelwe bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho; Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi.
24:7b.PRO.024.007 Ubulumko bunqabile kwisimathane; Asiwuvuli umlomo waso esangweni.
24:8b.PRO.024.008 Ocinga ngokwenza ububi, Lowo bathi ukumbiza nguMayelenqe.
24:9b.PRO.024.009 Iyelenqe lesimathane sisono; Ulisikizi ebantwini umgxeki.
24:10b.PRO.024.010 Uthe waphelelwa ngemini yembandezelo, Oba ebandezelwe amandla akho.
24:11b.PRO.024.011 Hlangula abasiwa ekufeni; Nabajingxela baye ekubulaweni, khawubanqande.
24:12b.PRO.024.012 Nokuba uthi, Yabona besingakwazi oko: Umlinganiseli weentliziyo yena akakuqondi na? Umgcini womphefumlo akakwazi na? Akayi kumbuyisela umntu ngokomsebenzi wakhe, yini na?
24:13b.PRO.024.013 Yidla ubusi, nyana wam, kuba bulungile; Nencindi imnandi ekhuhlangubeni lakho.
24:14b.PRO.024.014 Bazi ke ubulumko emphefumlweni wakho; Ukuba uthe wabufumana, kobakho ikamva, Linganqunyulwa ithemba lakho.
24:15b.PRO.024.015 Wena ungendawo, musa ukulilalela ikhaya lelungisa, Ungasibhuqi isikhundla salo;
24:16b.PRO.024.016 Kuba ilungisa liwa kasixhenxe, livuke; Ke abangendawo bakhubeka phantsi kwenkxwaleko.
24:17b.PRO.024.017 Musa ukuvuya ekuweni kotshaba lwakho, Ingagcobi intliziyo yakho ekukhubekeni kwalo;
24:18b.PRO.024.018 Hleze akubone uYehova, kube kubi emehlweni akhe, Awubuyise umsindo wakhe kulo.
24:19b.PRO.024.019 Musa ukuvutha ngumsindo ngabenzi bobubi, Ungabamoneli abangendawo;
24:20b.PRO.024.020 Kuba umenzi wobubi akayi kuba nakamva; Isibane sabangendawo siya kucinywa.
24:21b.PRO.024.021 Nyana wam, moyike uYehova nokumkani, Ungazibandakanyi nabanokumbi;
24:22b.PRO.024.022 Kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo; Ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo?
24:23b.PRO.024.023 Nala mazwi ngawezilumko: Ukukhetha ubuso ekugwebeni akulungile.
24:24b.PRO.024.024 Othi kongendawo, Ulilungisa wena, Ziya kumqalekisa izizwe; ziya kumbhavumela iintlanga.
24:25b.PRO.024.025 Kuya kuba mnandi kwabamohlwayayo; Kubo koza intsikelelo enokulungileyo.
24:26b.PRO.024.026 Wanga imilebe yomlomo Ophendula ngamazwi athe gca.
24:27b.PRO.024.027 Lilungise ishishini lakho phandle, Uzisebenzele entsimini yakho; Emveni koko wakhe indlu yakho.
24:28b.PRO.024.028 Musa ukuba lingqina ngommelwane wakho ngaphandle kwesizathu; Ungasuka uthomalalise na nangomlomo wakho?
24:29b.PRO.024.029 Musa ukuthi, Njengoko enze ngako kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye, Ndiya kubuyisela indoda ngokomsebenzi wayo.
24:30b.PRO.024.030 Ndagqitha entsimini yendoda elivila, Nasesidiliyeni somntu oswele ingqondo,
24:31b.PRO.024.031 Ndafika simile imithuma sonke siphela; Ngaphezulu senile ngamarhawu, Nodonga lwaso lwamatye ludilikile.
24:32b.PRO.024.032 Ndakhangela, ndasigqala ngentliziyo, Ndabona, ndamkela uqeqesho.
24:33b.PRO.024.033 Ithi, Intwana yobuthongo, intwana yokozela, Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:
24:34b.PRO.024.034 Boza ubuhlwempu bakho njengomphangi; Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.
25
25:1b.PRO.025.001 Nale yimizekeliso kaSolomon, awayihlanganisayo amadoda kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda.
25:2b.PRO.025.002 Luzuko lukaThixo ukuyisithelisa into; Luzuko lokumkani ukuyigocagoca.
25:3b.PRO.025.003 Izulu ngokuphakama, umhlaba ngobunzulu, Nentliziyo yokumkani asinto inokugocwagocwa.
25:4b.PRO.025.004 Longule igwebu esilivereni, Kuvele isitya somnyibilikisi;
25:5b.PRO.025.005 Shenxisa abangendawo ebusweni bokumkani, Yozinza itrone yakhe ngobulungisa.
25:6b.PRO.025.006 Musa ukudokozelisa ilizwi phambi kokumkani, Ungazimisi endaweni yabakhulu.
25:7b.PRO.025.007 Kuba kulungile ukuba kuthiwe kuwe, Nyukela apha, Kunokuba uthotywe phambi kwenene, Alibonileyo amehlo akho.
25:8b.PRO.025.008 Musa ukuphuma ungxamile, ukuya ekubambaneni nomnye, Hleze kuthiwe, Wothini na emveni koko? Xa kaloku akuhlazileyo ummelwane wakho.
25:9b.PRO.025.009 Ubambene nommelwane wakho, bambana naye; Ke ucweyo lomnye musa ukuluhlakaza,
25:10b.PRO.025.010 Hleze akuhlaze oluvayo, Lungabi sabuya lusuke udaba lwakho olubi.
25:11b.PRO.025.011 Ziilamuni zegolide kwizitya zesilivere ezimakhazikhazi Ilizwi elithethwe latyapha.
25:12b.PRO.025.012 Ulijikazi legolide, nezidanga zegolide ezicikizekileyo Umohlwayi olumkileyo ezindlebeni ezinokuva.
25:13b.PRO.025.013 Sinjengokuphozisa kwekhephu ngemini yokuvuna Isigidimi esinyanisileyo kwabasithumileyo: Siyawubuyisa umphefumlo wenkosi yaso.
25:14b.PRO.025.014 Ungamafu anomoya, angenamvula, Umntu oqhayisa ngesipho esikhohlisayo.
25:15b.PRO.025.015 Umlawuli uyarhwebesheka ngokuzeka kade umsindo; Ulwimi oluthambileyo lwaphula ithambo.
25:16b.PRO.025.016 Ufumene ubusi, yidla obukulingeneyo, Hleze udikwe, ubuhlanze.
25:17b.PRO.025.017 Malungayi futhi unyawo lwakho endlwini yommelwane wakho, Hleze adikwe nguwe, akuthiye.
25:18b.PRO.025.018 Sisando, likrele, lutolo olutsolileyo, Indoda engqina ubungqina obubuxoki ugommelwane wayo.
25:19b.PRO.025.019 Lizinyo eliqhuzukileyo, lunyawo olukrunekileyo, Ukukholosa ngenginingini ngemini yembandezelo.
25:20b.PRO.025.020 Olahla ingubo yokwaleka ngemini yengqele, nqwa kwaneviniga egalelwe kwisoda, Kwanovuma iingoma kontliziyo imbi.
25:21b.PRO.025.021 Ukuba okuthiyileyo uthe walamba, mphe ukudla adle; Ukuba uthe wanxanwa, mseze amanzi;
25:22b.PRO.025.022 Kuba ufumba wena amalahle avuthayo entlokweni yakhe; UYehova wokuvuza.
25:23b.PRO.025.023 Umoya ovela ngasentla uvelisa isiphango; Ulwimi oluhlebayo luvelisa ubuso obujalileyo.
25:24b.PRO.025.024 Kulungile ukuhlala elungqamekweni oluphezu kwendlu, Kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onengxabano.
25:25b.PRO.025.025 Ngamanzi abandayo emphefumlweni otyhafileyo Iindaba ezilungileyo, ezivela ezweni elikude.
25:26b.PRO.025.026 Liqula eligxojiweyo, ngumthombo owonakeleyo, Ilungisa elikhwelelayo phambi kongendawo.
25:27b.PRO.025.027 Ukudla ubusi obuninzi akulungile; Ke ukugocagoca izinto ezinzima luzuko.
25:28b.PRO.025.028 Ngumzi otyhoboziweyo, ongenaludonga, Indoda engenakuzibamba umoya wayo.
26
26:1b.PRO.026.001 Njengekhephu ehlotyeni, njengemvula ngexa lokuvuna, Lunjalo ukungasifaneli isinyabi uzuko.
26:2b.PRO.026.002 Njengondlunkulu ekuphapha-phaphazeleni kwakhe, njengenkonjane ekubalekeni kwayo, Kunjalo ukutshabhisa ngaphandle kwesizathu; akuyi kuphumelela ntweni.
26:3b.PRO.026.003 Iziniya yeyehashe, umkhala ngowe-esile, Intonga yeyomhlana wesinyabi.
26:4b.PRO.026.004 Musa ukusiphendula isinyabi ngokokumatha kwaso, Hleze usifuze.
26:5b.PRO.026.005 Siphendule isinyabi ngokokumatha kwaso, Hleze sibe sisilumko kwawaso amehlo.
26:6b.PRO.026.006 Unqumla iinyawo, usela ugonyamelo, Osithuma imicimbi yakhe isinyabi.
26:7b.PRO.026.007 Nqwa nokulengalenga kwemilenze yesiqhwala, Umzekeliso emlonyeni wesinyabi.
26:8b.PRO.026.008 Njengokubopha ilitye esisawulweni, Unjalo osinika uzuko isinyabi.
26:9b.PRO.026.009 Ngameva angene esandleni senxila Umzekeliso ongene emlonyeni wesinyabi.
26:10b.PRO.026.010 Okuninzi kuzala into yonke; Ke wona umvuzo wesinyabi, kwanomvuzi waso, bayadlula.
26:11b.PRO.026.011 Njengenja ibuyela emhlanzweni wayo, Sinjalo isinyabi ukuphinda ukumatha kwaso.
26:12b.PRO.026.012 Uyayibona indoda ilumkile kwawayo amehlo, Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
26:13b.PRO.026.013 Ivila lithi, Kukho ingonyama endleleni, Kukho ingonyama ezitratweni.
26:14b.PRO.026.014 Ucango lujinga ezihinjizini zalo, Linjalo ivila elukhukweni lwalo.
26:15b.PRO.026.015 Ivila lifaka isandla salo esityeni, Yindiniso ukusibuyisela kwasemlonyeni walo.
26:16b.PRO.026.016 Ivila lilumkile kwawalo amehlo Kunabasixhenxe abaphendula ngemvo.
26:17b.PRO.026.017 Ubamba ngendlebe inja igqitha, Ophuphuma umsindo ngembambano angephambi kwayo.
26:18b.PRO.026.018 Njengedwadwasi elijula izikhuni Neentolo zokufa,
26:19b.PRO.026.019 Injalo indoda ekhohlisa ummelwane wayo, Ibe isithi, Andidlali na?
26:20b.PRO.026.020 Zakuphela iinkuni, uyacima umlilo; Kwakuba kungekho ntlebi, iyadamba ingxabano.
26:21b.PRO.026.021 Nqwa namalahle amnyama kumalahle avuthayo, Nqwa neenkuni kumlilo, indoda enengxabano ukuphemba imbambano.
26:22b.PRO.026.022 Amazwi entlebi anjengemithamo imnandi; Yona ihla iye ezingontsini zombilini.
26:23b.PRO.026.023 Ligwebu lesilivere, lalekwe empahleni yodongwe, Umlomo ovuthayo unentliziyo enobubi.
26:24b.PRO.026.024 Ngemilebe yomlomo wakhe uyanyhwalaza umthiyi; Embilinini yakhe umisa inkohliso.
26:25b.PRO.026.025 Xa athe walimnandisa ilizwi lakhe, musa ukukholwa nguye; Kuba ngamasikizi asixhenxe entliziyweni yakhe.
26:26b.PRO.026.026 Intiyo izifihla ngenkohliso; Ububi bayo bozityhila esikhungwini.
26:27b.PRO.026.027 Omba isihogo weyela kuso; Oqengqa ilitye, libuyela kuye.
26:28b.PRO.026.028 Ulwimi oluxokayo luyabathiya abatyunyuzwa lulo; Nomlomo ocengacengayo usebenza ububi.
27
27:1b.PRO.027.001 Musa ukuqhayisa ngemini yangomso; Kuba akukwazi okuya kuzalwa yimini.
27:2b.PRO.027.002 Mawudunyiswe ngomnye, ingabi ngowakho umlomo; Mayibe nguwumbi, ingabi yeyakho imilebe yomlomo.
27:3b.PRO.027.003 Linzima ilitye, ingumthwalo intlabathi; Ke yona ingqumbo yesimathane inzima kunezo nto zombini.
27:4b.PRO.027.004 Ubujorha bunobushushu, umsindo sisiphango; Nekhwele, ngubani na onokuma phambi kwalo?
27:5b.PRO.027.005 Kulungile ukohlwaywa ekuhleni Ngaphezu kothando olusitheleyo.
27:6b.PRO.027.006 Akholekile amanxeba omhlobo; Kodwa yingxungxu ukwanga kotshaba.
27:7b.PRO.027.007 Umphefumlo ohluthiyo ugqusha incindi yobusi; Umphefumlo olambileyo, yonke into ekrakra imnandi kuwo.
27:8b.PRO.027.008 Njengentaka ephekuziweyo endlwini yayo, Injalo indoda ephekuziweyo ekhayeni layo.
27:9b.PRO.027.009 Ioli nesiqhumiso sivuyisa intliziyo, Kwanobumnandi bomhlobo obuphuma ekucebiseni komphefumlo.
27:10b.PRO.027.010 Musa ukumlahla umhlobo wakho nomhlobo kayihlo; Ungangeni endlwini yomzalwana wakho ngemini yokusindeka kwakho; Ulungile ummelwane okufuphi, kunomzalwana okude.
27:11b.PRO.027.011 Yiba nobulumko, nyana wam, uyivuyise intliziyo yam; Ukuze ndimphendule ngezwi ondingcikivayo.
27:12b.PRO.027.012 Onobuqili uyabubona ububi, azimele; Ke zona iziyatha zigqitha kubo, zohlwaywe.
27:13b.PRO.027.013 Thabatha ingubo yakhe omele omnye; Menze isibambiso ngenxa yezinto zasemzini.
27:14b.PRO.027.014 Osikelela ummelwane wakhe ngezwi elikhulu, evuka kwakusasa, Kubalelwa ekuthini uyamtshabhisa.
27:15b.PRO.027.015 Uqhoqhozo oluxikileyo mini ngemvula, Nomfazi onengxabano, kuyafana;
27:16b.PRO.027.016 Omnqandayo, unqanda umoya; Isandla sakhe sokunene sihlangabezene neoli.
27:17b.PRO.027.017 Isinyithi silola isinyithi, Indoda ilola ubuso bowayo.
27:18b.PRO.027.018 Olondoloza umkhiwane wodla isiqhamo sawo; Ogcine inkosi yakhe wozukiswa.
27:19b.PRO.027.019 Emanzini, ubuso buyelelene nobuso; Injalo intliziyo yomntu kumntu.
27:20b.PRO.027.020 Elabafileyo nenzonzobila azinakuhlutha, Namehlo omntu akanakuhlutha.
27:21b.PRO.027.021 Ukhamba lolokunyibilikisa isilivere, iziko lelokunyibilikisa igolide. Nendoda iya ngokokudunyiswa kwayo.
27:22b.PRO.027.022 Nokuba uthe wasingqusha isimathane esingqushweni phakathi komngqusho ngentonga yokungqusha, Akuyi kusuka kuso ukumatha kwaso.
27:23b.PRO.027.023 Khuthalela ukubazi ubume bempahla yakho emfutshane, Yibhekise intliziyo yakho emihlambini yakho.
27:24b.PRO.027.024 Ngokuba ayingonaphakade ingqwebo; Nesithsaba sesezizukulwana ngezizukulwana, yini na?
27:25b.PRO.027.025 Sithe tshabalala nje isikhotha, kuvela uhlaza, Ihlanganisiwe imifuno yeentaba:
27:26b.PRO.027.026 Amatakane ngawokukwambesa, Ixabiso lentsimi ziinkunzi zeebhokhwe;
27:27b.PRO.027.027 Amasi eebhokhwe alingene ukudla kwakho, nokudla kwendlu yakho, Nokuphila komthinjana wakho.
28
28:1b.PRO.028.001 Basaba bengasukelwa nto abangendawo; Ke wona amalungisa akholosa njengengonyama.
28:2b.PRO.028.002 Ngokreqo lwelizwe baba baninzi abathetheli balo; Ngomntu onengqondo, onokwazi, ukuzinza kwalo kuyoluka.
28:3b.PRO.028.003 Umfo oyintloko ekucudiseni izisweli Yimwula etshayelayo, ingasalisi kudla.
28:4b.PRO.028.004 Abashiya umyalelo badumisa abangendawo; Ke abawugcinayo umyalelo bayazixhokonxa ngabo.
28:5b.PRO.028.005 Abantu abanobubi abakuqondi okusesikweni; Ke bona abamquqelayo uYehova baqonda izinto zonke.
28:6b.PRO.028.006 Lilungile ihlwempu elihamba ngengqibelelo yalo, Ngaphezu komjibilizi ondlela mbini, nakuba esisityebi.
28:7b.PRO.028.007 Obamba umyalelo ngunyana onengqondo; Ke olikholwane labachithi uhlaza uyise.
28:8b.PRO.028.008 Owongeza ubuncwane bakhe ngokudla abanye, nangolwandiso, Ubuthela obabala izisweli.
28:9b.PRO.028.009 Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo, Kwanomthandazo wakhe ulisikizi.
28:10b.PRO.028.010 Obalahlekisayo abathe tye ngendlela enobubi, Kuya kweyela yena esihogweni sakhe, Bona abagqibeleleyo bakudle ilifa okulungileyo.
28:11b.PRO.028.011 Ilumkile indoda esisityebi kwawayo amehlo; Ke isisweli esinengqondo siyayigocagoca.
28:12b.PRO.028.012 Ekudlamkeni kwamalungisa kwanda uzuko; Ekuphakameni kwabangendawo, abaveli nokuvela abantu.
28:13b.PRO.028.013 Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo; Ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.
28:14b.PRO.028.014 Hayi, uyolo lomntu ohlala enkwantya; Ke yena ontliziyo ilukhuni uya kweyela ebubini.
28:15b.PRO.028.015 Uyingonyama egqumayo, uyibhere ebhaduliswa kukulamba, Umlawuli ongendawo kubantu abazizisweli.
28:16b.PRO.028.016 Hayi, inganga iswele ukuqonda, enokucudisa okuninzi! Othiye inzuzo embi wolula imihla yakhe.
28:17b.PRO.028.017 Umntu onovalo ngegazi lomphefumlo Usabela nasemhadini makangabanjezelwa.
28:18b.PRO.028.018 Ohamba ngengqibelelo uya kusindiswa, Ke umjibilizi ondlela mbini weyela okukanye.
28:19b.PRO.028.019 Owusebenzayo umhlaba wakhe uya kuhlutha sisonka; Osukela izinto ezingento uya kuhlutha bubuhlwempu.
28:20b.PRO.028.020 Indoda enyanisekileyo ineentsikelelo ezininzi; Ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa.
28:21b.PRO.028.021 Ukukhetha ubuso akulungile; Ngenxa yeqhekeza lesonka umntu angade aphosise.
28:22b.PRO.028.022 Indoda eliso libi ikhawulezela ukutyeba; Ayazi ukuba ukuswela kuya kuyifikela.
28:23b.PRO.028.023 Omohlwayayo umntu wothi kamva afumane ubabalo, Ngaphezu kocengacengayo ngolwimi.
28:24b.PRO.028.024 Ophanga uyise nonina, athi, Asilukreqo, Ulidlelane lendoda engumonakalisi.
28:25b.PRO.028.025 Omphefumlo ubawayo uxhaya ingxabano; Ke yena okholose ngoYehova uyatyetyiswa.
28:26b.PRO.028.026 Okholose ngeyakhe intliziyo usisidenge; Ke yena ohamba ngobulumko uya kusinda.
28:27b.PRO.028.027 Opha ihlwempu akasweli; Ke yena ofihla amehlo akhe uneengqalekiso ezininzi.
28:28b.PRO.028.028 Ekuphakameni kwabangendawo bayasithela abantu; Ekutshabalaleni kwabo ayanda amalungisa.
29
29:1b.PRO.029.001 Indoda eyohlwaywa futhi, iyenze lukhuni intamo yayo, Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.
29:2b.PRO.029.002 Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu; Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.
29:3b.PRO.029.003 Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise; Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.
29:4b.PRO.029.004 Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko; Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.
29:5b.PRO.029.005 Umfo ocengacenga ummelwane wakhe Uthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.
29:6b.PRO.029.006 Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo; Ke lona ilungisa limemelela livuye.
29:7b.PRO.029.007 Ilungisa liyalazi ibango lesisweli; Ke yena ongendawo akanangqondo yakulazi.
29:8b.PRO.029.008 Amadoda agxekayo aphembelela isixeko; Ke zona izilumko ziyawudambisa umsindo.
29:9b.PRO.029.009 Yakumangalelana indoda elumkileyo nesimathane, Soguguma sihleke, kungabikho kuthozama.
29:10b.PRO.029.010 Amadoda amagazi ayabathiya abagqibeleleyo; Nabathe tye, afuna umphefumlo wabo,
29:11b.PRO.029.011 Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso, Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.
29:12b.PRO.029.012 Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki, Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.
29:13b.PRO.029.013 Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana; Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.
29:14b.PRO.029.014 Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso, Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.
29:15b.PRO.029.015 Intonga nesohlwayo sinika ubulumko; Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.
29:16b.PRO.029.016 Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo; Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.
29:17b.PRO.029.017 Mqeqeshe unyana wakho, wokuphefumlisa, Awuyolise umphefumlo wakho.
29:18b.PRO.029.018 Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu; Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!
29:19b.PRO.029.019 Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi; Kuba siyaqonda, singakhathali.
29:20b.PRO.029.020 Uyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo? Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
29:21b.PRO.029.021 Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakhe Uya kwenelwa lukhula ekupheleni.
29:22b.PRO.029.022 Indoda enomsindo ixhaya ingxabano; Umntu onobushushu uzele lukreqo.
29:23b.PRO.029.023 Ikratshi lomntu liya kumthoba; Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.
29:24b.PRO.029.024 Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe; Uyasiva isishwabulo, angaxeli.
29:25b.PRO.029.025 Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo; Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.
29:26b.PRO.029.026 Baninzi abafuna ubuso bomlawuli; Ke lona ibango lendoda livela kuYehova.
29:27b.PRO.029.027 Indoda enobugqwetha lisikizi kumalungisa; Ondlela ithe tye lisikizi kongendawo.
30
30:1b.PRO.030.001 Amazwi ka-Agure unyana kaYakhe, waseMasa. Itsho indoda leyo, ithi, Ndizidinisile, ndizidinisile ndaphela,
30:2b.PRO.030.002 Kuba ndisisityhakala, andimntu; Ingqondo yomntu ayikho kum.
30:3b.PRO.030.003 Andifundanga bulumko, Ukuba ndazi ukwaziwa koyiNgcwele.
30:4b.PRO.030.004 Ngubani na owenyuka waya emazulwini, waza wehla? Ngubani na ofumbethe umoya ngezandla zakhe? Ngubani na obophe amanzi engutyeni? Ngubani na omise zonke iziphelo zehlabathi? Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba uyalazi?
30:5b.PRO.030.005 Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe. Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye.
30:6b.PRO.030.006 Musa ukongeza emazwini akhe, Hleze akohlwaye, ube ngothetha amanga.
30:7b.PRO.030.007 Ndicele kuwe izinto ezimbini; Musa ukundivimba zona ndingekafi:
30:8b.PRO.030.008 Khwelelisa kum inkohlakalo nelizwi lamanga; Musa ukundinika ubuhlwempu nobutyebi; Ndihlafunise isonka endisimiselweyo;
30:9b.PRO.030.009 Hleze ndihluthe, ndikhanyele, ndithi, Ngubani na uYehova? Hleze ndihlwempuzeke, ndibe, Ndilicukuceze igama likaThixo wam.
30:10b.PRO.030.010 Musa ukusihleba isicaka enkosini yaso, Hleze sikutshabhise, uthwale ityala.
30:11b.PRO.030.011 Kukho isizukulwana esiishabhisa uyise, Singamsikeleli unina;
30:12b.PRO.030.012 Kukho isizukulwana esihlambulukileyo kwawaso amelulo, Esingahlanjwanga ekungcoleni kwaso;
30:13b.PRO.030.013 Kukho isizukulwana, hayi, ukuqwayinga kwamehlo aso, Ukuziphakamisa kweenkophe zaso!
30:14b.PRO.030.014 Kukho isizukulwana esimazinyo angamakrele, simabamba azizitshetshe Zokudla iintsizana ehlabathini, namahlwempu phakathi kwesintu.
30:15b.PRO.030.015 Isimungunyi-gazi sineentombi ezimbini, ezithi, Ethe, ethe! Zintathu izinto ezingenakuhlutha; Zine ezingatshoyo ukuthi, Kwanele:
30:16b.PRO.030.016 Lelabafileyo; kukungazali; Ngumhlaba ongahluthiyo ngamanzi; Ngumlilo ongatshoyo ukuthi, Kwanele.
30:17b.PRO.030.017 Iliso eligculela uyise, Lidele ukumlulamela unina, Aya kulikrukra amahlungulu asemlanjeni, Alidle amathole exhalanga.
30:18b.PRO.030.018 Izinto zintathu ezibalulekileyo kum; Hayi, zine endingenakuzazi:
30:19b.PRO.030.019 Yindlela yexhalanga esibhakabhakeni, Yindlela yenyoka etyeni, Yindlela yenqanawa esazulwini solwandle, Yindlela yomfo nentombi.
30:20b.PRO.030.020 Injalo indlela yomfazi okrexezayo: Uyadla, asule umlomo, Athi, Andenzanga bubi.
30:21b.PRO.030.021 Ngaphantsi kwezinto ezintathu umhlaba uyanyikima, Ngaphantsi kwezine ukhohliwe kukuthwala:
30:22b.PRO.030.022 Ngaphantsi kwesicaka, xa sithe sangukumkani; Nesidenge, xa sithe sahlutha sisonka;
30:23b.PRO.030.023 Ngaphantsi kwesigele sentombi, xa sithe senda; Nesicakakazi xa sithe sadla ilifa lenkosikazi yaso.
30:24b.PRO.030.024 Izinto zine ezincinane emhlabeni, Kanti zilumke kakhulu:
30:25b.PRO.030.025 Iimbovane ngabantu abangenamandla Kanti zilungisa ukudla kwazo ehlotyeni;
30:26b.PRO.030.026 Iimbila ngabantu abangomeleleyo, Kanti zimisa izindlu zazo emaweni;
30:27b.PRO.030.027 Iinkumbi azinakumkani, Kanti ziphuma zingamaqela ngamaqela zonke;
30:28b.PRO.030.028 Icilitshe unako ukulibamba ngezandla, Kanti lisemabhotweni ookumkani.
30:29b.PRO.030.029 Izinto zintathu ezihamba ngokunyalasa, Hayi, zine ezilungisayo ukuhamba:
30:30b.PRO.030.030 Yingonyama, igorha phakathi kwezinto ezizitho zine, Elingabuyi umva phambi kweento zonke;
30:31b.PRO.030.031 Yinja elingesi nokuba yinkunzi yebhokhwe; Ngukumkani enomkhosi wakhe.
30:32b.PRO.030.032 Ukuba uthe wenza ngobudenge ngokuziphakamisa, Nokuba uthe wankqangiyela, Beka isandla emlonyeni.
30:33b.PRO.030.033 Kuba ukucofa ubisi kuvelisa amasi, Ukucofa impumlo kuvelisa igazi, Ukucofa umsindo kuvelisa imbambano.
31
31:1b.PRO.031.001 Amazwi kaLemuweli, ukumkani waseMasa, awamqeqesha ngawo unina.
31:2b.PRO.031.002 Yini, nyana wam? yini, nyana wesizalo sam? Yini, nyana wezibhambathiso zam?
31:3b.PRO.031.003 Amandla akho musa ukuwanika amankazana, Iindlela zakho uzinike abo batshabalalisa ookumkani.
31:4b.PRO.031.004 Asiyindawo yokumkani, Lemuweli, asiyindawo yokumkani ukusela iwayini; Asiyindawo yezidwangube ukuthi, Siphi na isiselo esinxilisayo?
31:5b.PRO.031.005 Hleze basele bakulibale okumiselweyo, Balijike ityala loonyana bonke beentsizi.
31:6b.PRO.031.006 Isiselo esinxilisayo sinikeni abatshabalalayo, Newayini yinikeni abamphefumlo ukrakra.
31:7b.PRO.031.007 Mabasele abo, babulibale ubuhlwempu babo, Bangabi sabukhumbula ububi babo.
31:8b.PRO.031.008 Wuvule umlomo wakho ngenxa yosisidenge, Ngenxa yetyala labo bonke abadlulayo.
31:9b.PRO.031.009 Vula umlomo wakho, gweba ngobulungisa, Ugwebe ityala lolusizana nolihlwempu.
31:10b.PRO.031.010 Umfazi onesidima ngubani na ongamfumanayo? Lingaphezulu nakwikorale ixabiso lakhe.
31:11b.PRO.031.011 Ikholose ngaye intliziyo yendoda yakhe, Ayisayi kuswela nto.
31:12b.PRO.031.012 Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi, Yonke imihla yobomi bakhe.
31:13b.PRO.031.013 Ufuna uboya begusha neflakisi, Asebenze ethumekelele ngezandla zakhe.
31:14b.PRO.031.014 Unjengeenqanawa zabarhwebi, Ukuya kuthabatha kude ukudla kwakhe.
31:15b.PRO.031.015 Uvuka kwasebusuku, Ayinike into edliwayo indlu yakhe, Awunike umsebenzi wawo umthinjana wakhe.
31:16b.PRO.031.016 Unkqangiyela intsimi ayizuze; Ngeziqhamo zezandla zakhe utyala isidiliya.
31:17b.PRO.031.017 Ubhinqa amandla emanqeni akhe, Ayomeleze imikhono yakhe.
31:18b.PRO.031.018 Uyakuva ukuba kulungile ukurhweba kwakhe; Isibane sakhe asicimi ebusuku.
31:19b.PRO.031.019 Uzibeka izandla zakhe entongeni yokuluka, Neminwe yakhe ibamba isikhanda sento yokuluka.
31:20b.PRO.031.020 Isandla sakhe usitwabululela olusizana, Azolulele izandla zakhe kumahlwempu.
31:21b.PRO.031.021 Indlu yakhe akayoyikeli, mhlana ngekhephu, Kuba yonke indlu yakhe yambethe ezisithileyo.
31:22b.PRO.031.022 Uzenzela imiqamelo; Yilinen ecikizekileyo kwanemfusa isambatho sakhe.
31:23b.PRO.031.023 Iyaziwa indoda yakhe emasangweni, Ekubutheni kwayo namadoda amakhulu elizwe.
31:24b.PRO.031.024 Wenza iingubo zelinen entle, Athengise ngazo, athengise ngemibhinqo kumaKanan.
31:25b.PRO.031.025 Ngamandla nobungangamela isambatho sakhe; Usuka ahleke ngemini ezayo.
31:26b.PRO.031.026 Umlomo wakhe uwuvula ngobulumko; Umyalelo onenceba uselulwimini lwakhe.
31:27b.PRO.031.027 Uyayondela ihambo yendlu yakhe, Angasidli isonka sobuvila.
31:28b.PRO.031.028 Bayasuka oonyana bakhe, bathi unoyolo; Iyasuka indoda yakhe imdumise;
31:29b.PRO.031.029 Ithi, Zininzi iintombi ezenza ngokunesidima; Ke wena uzidlule zonke ziphela.
31:30b.PRO.031.030 Bubuxoki ubuhle, ngamampunge ubunzwakazi; Ngumfazi owoyika uYehova yedwa oya kudunyiswa.
31:31b.PRO.031.031 Mnikeni kwiziqhamo zezandla zakhe, Zimdumise emasangweni izenzo zakhe.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Proverbs (Xhosa). Proverbs (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3AF-7