Job (Xhosa)
1
1:1b.JOB.001.001 Kwabe kukho indoda ezweni lakwaUtse, egama libe linguYobhi.
1:2b.JOB.001.002 Yaye loo ndoda igqibelele, ithe tye, imoyika uThixo, ityeka ebubini. Yazalelwa oonyana abasixhenxe neentombi ezintathu.
1:3b.JOB.001.003 Imfuyo yayo yayingamawaka asixhenxe empahla emfutshane, namawaka amathathu eenkamela, namakhulu amahlanu ezibini zeenkomo, namakhulu amahlanu eemazi zamaesile, nabakhonzi abaninzi kunene; yaba nkulu ke loo ndoda kubo bonke oonyana belasempumalanga.
1:4b.JOB.001.004 Oonyana bakhe babeqhele ukuya kwenza isidlo endlwini yalowo ibiyimini yakhe; bathumele bameme oodade babo bobathathu, ukuba badle basele nabo.
1:5b.JOB.001.005 Kwathi, yakuba izungulezile imihla yesidlo, wathumela uYobhi, wabangcwalisa, wavuka kusasa, wanyusa amadini anyukayo ngokwenani labo bonke bephela; kuba uYobhi ebesithi, Mhlawumbi oonyana bam bangaba bonile, bamlahla uThixo entliziyweni yabo. Ubesenjenjalo ke uYobhi loo mihla yonke.
1:6b.JOB.001.006 Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova, weza noSathana phakathi kwabo.
1:7b.JOB.001.007 Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.
1:8b.JOB.001.008 Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi: ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini?
1:9b.JOB.001.009 USathana wamphendula uYehova, wathi, UYobhi lo ufumana emoyikela ilize na uThixo?
1:10b.JOB.001.010 Akuthanga na wena wambiyela wamjikeleza, wayijikeleza indlu yakhe; wayijikeleza into yonke anayo ngeenxa zonke; wawusikelela umsebenzi wezandla zakhe, imfuyo yakhe yaligqiba ilizwe?
1:11b.JOB.001.011 Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise into yonke anayo, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.
1:12b.JOB.001.012 Wathi uYehova kuSathana, Yabona, konke anako kusesandleni sakho; ke kuye ngokwakhe musa ukusa sandla sakho. Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova.
1:13b.JOB.001.013 Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakhe neentombi zakhe babesidla, besela iwayini, endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu.
1:14b.JOB.001.014 Kweza umthunywa kuYobhi, wathi, Iinkomo bezilima, namaesile ebesidla ecaleni lazo;
1:15b.JOB.001.015 agaleleka amaShebha, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele, kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
1:16b.JOB.001.016 Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Umlilo kaThixo uwe ezulwini, wayitshisa impahla emfutshane nabafana, wabadla; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
1:17b.JOB.001.017 Esathetha lo, kwafika omnye wathi, AmaKaledi amisa amaqela amathathu azingenela iinkamela, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
1:18b.JOB.001.018 Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Oonyana bakho neentombi zakho babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu;
1:19b.JOB.001.019 nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zone zendlu, yabawela abafana abo, bafa; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
1:20b.JOB.001.020 Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda.
1:21b.JOB.001.021 Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwaze: uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo; igama likaYehova malibongwe.
1:22b.JOB.001.022 Kuko konke oko akonanga uYobhi, akamsola nokumsola uThixo.
2
2:1b.JOB.002.001 Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova.
2:2b.JOB.002.002 Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.
2:3b.JOB.002.003 Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini: esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo, noko undixhokonxele kuyo ukubandiyiginyele ilize?
2:4b.JOB.002.004 USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulusu ngenxa yolusu; konke anako umntu wokunika ngenxa yomphefumlo wakhe.
2:5b.JOB.002.005 Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise emathanjeni akhe nasenyameni yakhe, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.
2:6b.JOB.002.006 Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kuphela wogcina umphefumlo wakhe.
2:7b.JOB.002.007 Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe.
2:8b.JOB.002.008 Wathabatha ukhamba ukuba azikhuhle ngalo, ehleli eluthuthwini.
2:9b.JOB.002.009 Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? Mlahle uThixo, ufe.
2:10b.JOB.002.010 Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na? Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.
2:11b.JOB.002.011 Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso: uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama. Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele.
2:12b.JOB.002.012 Baphakamisa amehlo abo besekude, abamazi; baphakamisa izwi labo, balila; bakrazula elowo ingubo yakhe yokwaleka, bazigalela ngothuli entloko, beluphosa phezulu ezulwini.
2:13b.JOB.002.013 Bahlala naye emhlabeni apho iimini zasixhenxe nobusuku bazo; kungekho namnye uthetha naye, kuba babebona ukuba umvandedwa wakhe mkhulu kakhulu.
3
3:1b.JOB.003.001 Emveni koko uYobhi wawuvula umlomo wakhe, wayiqalekisa imini yakhe.
3:2b.JOB.003.002 Wasusela uYobhi, wathi,
3:3b.JOB.003.003 Mayidake imini endazalwa ngayo, Nobusuku ekwathiwa, Kukhawulwe indoda.
3:4b.JOB.003.004 Loo mini mayibe bubumnyama, Angayinyamekeli uThixo phezulu, Kungayibengezeli ukukhanya.
3:5b.JOB.003.005 Mayikhululwe ngentlawulelo bubumnyama nethunzi lokufa, Makulale amafu phezu kwayo; Mayidandathekiswe kokungcolisa imini.
3:6b.JOB.003.006 Obo busuku-masibubambe isithokothoko; Mabungavuyi phakathi kwemihla yomnyaka; Mabungangeni enanini leenyanga.
3:7b.JOB.003.007 Yabona, obo busuku mabube ludlolo; Makungezi kumemelela kubo,
3:8b.JOB.003.008 Mababuqalekise abaqalekisi bemihla, Abaxhobele ukuxhokonxa ileviyatan.
3:9b.JOB.003.009 Mazibe mnyama iinkwenkwezi zomso wabo obomvu; Mabulinde ukufika kokukhanya, kungabikho; Bungaziboni iinkophe zesifingo;
3:10b.JOB.003.010 Ngokuba bungazivalanga iingcango zesizalo esandizalayo, Bungabusithelisanga ububi emehlweni am.
3:11b.JOB.003.011 Ibe iyini na ukuba ndingafeli embilinini, Ndingaphumi umphefumlo ndisavela esizalweni?
3:12b.JOB.003.012 Kube kungani na ukuba amadolo andihlangabeze? Ibe iyini na ukuba andihlangabeze amabele, ukuze ndiwanye?
3:13b.JOB.003.013 Kuba ngoku ngendiba ndilele, ndazola; Ngendiba ndalala ubuthongo, ndandula ukuphumla
3:14b.JOB.003.014 Nokumkani namaphakathi elizwe, Abo bazakhelayo amanxuwa;
3:15b.JOB.003.015 Nabathetheli abanegolide, Abazizalisayo izindlu zabo ngesilivere.
3:16b.JOB.003.016 Ngendiba andikho, njengemvambilini eselelweyo; Njengabantwana abangabonanga kukhanya.
3:17b.JOB.003.017 Kuba apho, abangendawo bakuyekile ukugungqa; Khona apho bayaphumla abaphelelwe ngamandla.
3:18b.JOB.003.018 Abakhonkxiweyo bonwabile ndaweni-nye; Abasaliva izwi lomqhubi.
3:19b.JOB.003.019 Omncinane nomkhulu-khona bayalingana; Ikhoboka likhululekile enkosini yalo.
3:20b.JOB.003.020 Yini na ukuba abasebubini abanike ukukhanya, Nabamphefumlo ukrakra abanike ubomi?
3:21b.JOB.003.021 Abalinde ukufa, kusuke kungabikho; buselelweyo;
3:22b.JOB.003.022 Abavuya bade bagcobe, Babe nemihlali, xa bathe bafumanana nengcwaba?
3:23b.JOB.003.023 Ukuba ukukhanya akunike umfo ondlela isitheleyo, Obiyelweyo nguThixo ngeenxa zonke?
3:24b.JOB.003.024 Kuba endaweni yesonka sam kuza ukugcuma, Kuphalazeka njengamanzi ukubhonga kwam.
3:25b.JOB.003.025 Kuba ndinkwantya kokunkwantyisayo, kwaza kwandifikela, Into endinxunguphala yiyo indizele.
3:26b.JOB.003.026 Ndathi, ndingachulumachanga ndingazolanga, ndingaphumlanga, Kweza ke ukugungqa.
4
4:1b.JOB.004.001 Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
4:2b.JOB.004.002 Kungakudinisa na, kwakulingwa ukubhekiswa ilizwi kuwe? Engubani na onako ukuzibamba angathethi?
4:3b.JOB.004.003 Yabona, uthethise abaninzi, Wazomeleza izandla eziwileyo;
4:4b.JOB.004.004 Ukuthetha kwakho kwabaphakamisa abakhubekayo, Wawaqinisa amadolo agevegeve.
4:5b.JOB.004.005 Kungokunje into ize kuwe, wadinwa; Ifike kuwe, wakhwankqiswa.
4:6b.JOB.004.006 Ukoyika kwakho uThixo asiyinqolonci yakho na? Ithemba lakho alikukugqibelela kweendlela zakho na?
4:7b.JOB.004.007 Khawukhumbule, ngubani na owakha wadaka, emsulwa? Kuphi na apho ke bathi shwaka khona abathe tye?
4:8b.JOB.004.008 Ngokubona endibone ngako, abalima inkohlakalo, Nabahlwayela ububi, bavuna kwabona.
4:9b.JOB.004.009 Badaka ngokuphefumla kukaThixo, Baphela ngumoya womsindo wakhe.
4:10b.JOB.004.010 Ukugquma kwengonyama, nelizwi lebhavumayo, Namazinyo eengonyama ezintsha ancothukile.
4:11b.JOB.004.011 Ingonyama iyatshabalala ngokuswela into yokuqwenga; Amathole engonyamakazi achithakele.
4:12b.JOB.004.012 Ndicothelwe lilizwi, Indlebe yam yakuthabatha ukusebeza kwalo.
4:13b.JOB.004.013 Ezingcingangcingeni zasemibonisweni yobusuku, Bakusindwa abantu bubuthongo obukhulu,
4:14b.JOB.004.014 Kwandikhawulela ukunkwantya nokuthuthumela, Kwawankwantyisa amathambo am amaninzi.
4:15b.JOB.004.015 Kwathi phe umoya ebusweni bam, Yaba namanwele inyama yam.
4:16b.JOB.004.016 Wema, andayinakana imbonakalo yawo; Kwakho isimilo esithile phambi kwamehlo am; Ndeva izwi elisebezayo, lisithi,
4:17b.JOB.004.017 Umntu ulilungisa na ngaphezu koThixo? Uhlambululekile na umfo ngaphezu koMenzi wakhe?
4:18b.JOB.004.018 Yabona, akakholwa ngabakhonzi bakhe, Nezithunywa zakhe uthi zingabaphosisi;
4:19b.JOB.004.019 Bangabeka phi na ke abahlala ezindlwini zodaka, Abasiseko siseluthulini, Abatyunyuzwa njengamanundu?
4:20b.JOB.004.020 Kusa kuhlwe, beqotywa; Badake kuphele, kungekho ugqalayo.
4:21b.JOB.004.021 Abathi na, xa luthe lwancothulwa kubo uthambo lwentente, Bafe bengalumkanga?
5
5:1b.JOB.005.001 Khawubize kambe, ukuba ukho na owokuphendula. Uya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?
5:2b.JOB.005.002 Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane, Nekhwele liyambulala osisiyatha.
5:3b.JOB.005.003 Ndimbonile mna osisimathane emila; Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.
5:4b.JOB.005.004 Bakude nosindiso abantwana bakhe, Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;
5:5b.JOB.005.005 Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe, Balurhole naseluthangweni lwesiphingo; Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.
5:6b.JOB.005.006 Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini, Nobubi abuntshuli emhlabeni;
5:7b.JOB.005.007 Hayi, umntu uzalelwa ububi, Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.
5:8b.JOB.005.008 Ke mna bendiya kusingisa kuThixo, Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,
5:9b.JOB.005.009 Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;
5:10b.JOB.005.010 Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba, Ase amanzi phezu kwamaphandle,
5:11b.JOB.005.011 Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo, Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni.
5:12b.JOB.005.012 Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo, Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo.
5:13b.JOB.005.013 Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo, Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke.
5:14b.JOB.005.014 Emini baqubisana nobumnyama, Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku.
5:15b.JOB.005.015 Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo, Nasesandleni sowomeleleyo.
5:16b.JOB.005.016 Kubekho ke ithemba kosweleyo, Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.
5:17b.JOB.005.017 Yabona, unoyolo mntu owohlwaywa nguThixo! Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!
5:18b.JOB.005.018 Kuba wenza buhlungu, abophe; Uyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.
5:19b.JOB.005.019 Ezimbandezelweni ezintandathu uya kukuhlangula, Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;
5:20b.JOB.005.020 Endlaleni ukukhulula ekufeni Emfazweni ukukhulula ekuxatyelweni ngekrele,
5:21b.JOB.005.021 Eziniyeni yolwimi uzinyezwe, Ungoyiki imbuqo, yakufika.
5:22b.JOB.005.022 Imbuqo nendlala uya kuyihleka, Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.
5:23b.JOB.005.023 Kuba unqophisene namatye asendle, Amarhamncwa asendle axolelene nawe;
5:24b.JOB.005.024 Uya kwazi ukuba uxolo yintente yakho, Ulivelele ikhaya lakho, ungaphosani nanto;
5:25b.JOB.005.025 Uyazi ukuba ininzi imbewu yakho, Nenzala yakho injengomfuno wehlabathi.
5:26b.JOB.005.026 Uya kungena engcwabeni womelele, Njengokungeniswa kwesithungu ngexesha laso.
5:27b.JOB.005.027 Bona, oku sikugocagocile, kunjalo; Kuve, ukwazi wena ngokwakho.
6
6:1b.JOB.006.001 Waphendula uYobhi, wathi,
6:2b.JOB.006.002 Akwaba bekulinganiswe nokulinganiswa ukukhathazeka kwam, Kwabekwa esikalini ukweyela kwam ndawonye nako!
6:3b.JOB.006.003 Kuba ngoku bekuya kuba nzima ngaphezu kwentlabathi yolwandle; Kungenxa yoko le nto amazwi am angawokubhuda.
6:4b.JOB.006.004 Kuba iintolo zoSomandla zimi kum, Ezibuhlungu bazo buwufincayo umoya wam; Izidandathekiso zikaThixo zindakhele uluhlu lokulwa.
6:5b.JOB.006.005 Iesile lasendle likhe lilile na liseluhlazeni? Iyalila na inkomo isekutyeni kwayo?
6:6b.JOB.006.006 Iyadliwa na into ejavujavu, ingenatyuwa? Sikho na isongo kwintlaka yeqanda?
6:7b.JOB.006.007 Eyona nto walayo ukuyiphatha umphefumlo wam, Leyo yeyona ikukudla kwam okukruqulayo.
6:8b.JOB.006.008 Akwaba bendingazuza isicelo sam, UThixo andiphe endikulindelayo;
6:9b.JOB.006.009 Kukholeke kuThixo ukundityumza, Asivulele isandla sakhe, andinqumle!
6:10b.JOB.006.010 Ibiya kuhlala ikho intuthuzelo yam; Bendiya kuxhina kwezo ntlungu zingacongiyo; Kuba andiwakhanyelanga amazwi oyiNgcwele.
6:11b.JOB.006.011 Ayintoni na amandla am, ukuba ndingade ndithembe? Siyintoni na isiphelo sam, ukuba ndingade ndibe nokuzeka kade?
6:12b.JOB.006.012 Angamandla amatye na amandla am? Inyama yam ilubhedu na?
6:13b.JOB.006.013 Akuphelile yini na kum ukuncedakala, Ukuzimaseka kwabhejethwa kwakanye?
6:14b.JOB.006.014 Akuhlaziswa oqotyiweyo ngummelwane wakhe, Uya kulahla ukumoyika uSomandla.
6:15b.JOB.006.015 Abazalwana bam banginizile njengomlanjana, Njengomphantsi wemilanjana etshayo,
6:16b.JOB.006.016 Emdaka ngumkhenkce, Elizifihla kuyo ikhephu.
6:17b.JOB.006.017 Ekufikeni kokufudumala iyabhanga; Lakubalela ithi qoko, ingabikho ezindaweni zayo.
6:18b.JOB.006.018 Iyajikajika imendo yokuhamba kwayo, Inyuka iye enyanyeni, idake.
6:19b.JOB.006.019 Imikhoko yakwaTema yabheka, Imiqodi yakwaShebha yathemba yona;
6:20b.JOB.006.020 Yadana, kuba ibikholosile; Yafika khona, yaneentloni.
6:21b.JOB.006.021 Kuba ngoku nisuke naba yinto engento, Nibone ukuqhiphuka umbilini, noyika.
6:22b.JOB.006.022 Khe ndatsho na ukuthi, Etheni kum? Ndipheni emandleni enu?
6:23b.JOB.006.023 Nindisindise esandleni sombandezeli, Nindikhulule esandleni sengqwangangqwili?
6:24b.JOB.006.024 Ndiyaleni, ndothi cwaka; Nindiqondise ukulahleka kwam.
6:25b.JOB.006.025 Asikuko nokuba ayahlaba amazwi athe tye! Ke ukohlwaya kwenu kohlwaya ntoni na?
6:26b.JOB.006.026 Niba ninokohlwaya ukuthetha oku na? Angumoya amazwi omntu oncamileyo.
6:27b.JOB.006.027 Ke nangenkedama ningaqashisa, Nirhwebe ngommelwane wenu.
6:28b.JOB.006.028 Makukholeke kuni ngoku, nibheke kum, Kuba okunene ebusweni benu andiyi kuthetha amanga.
6:29b.JOB.006.029 Khanibuye, makungabikho bugqwetha, Niphinde nibuye; ubulungisa bam bukule nto.
6:30b.JOB.006.030 Bukho na ubugqwetha elulwimini lwam? Ikhuhlangubo lam alingekuqondi na ukweyelisela?
7
7:1b.JOB.007.001 Akaphume mkhosi na ehlabathini umntu? Ayinjengemihla yomqeshwa na imihla yakhe?
7:2b.JOB.007.002 Njengesicaka esibe sizonda umthunzi, Njengomqeshwa olinde umvuzo wakhe?
7:3b.JOB.007.003 Ndenjenjalo ukwamkeliswa iinyanga ezinenkohliso, Ndabalelwa nobusuku bobubi.
7:4b.JOB.007.004 Ndakuba ndilele phantsi, ndithi, Ndiya kuvuka nini na? Ukuhlwa kolukile, Ndidikiwe kukuqikaqikeka kude kuse.
7:5b.JOB.007.005 Inyama yam yambeswe iimpethu namagada omhlaba; Ulusu lwam lungamaqhula, lubhiqiza.
7:6b.JOB.007.006 Imihla yam ikhawuleza ngaphezu komkhonjana womluki, Iphela kungekho themba.
7:7b.JOB.007.007 Khumbula ukuba bungumoya ubomi bam; Iliso lam aliyi kubuya likubone okulungileyo.
7:8b.JOB.007.008 Aliyi kuba sandalama iliso londibonileyo; Amehlo akho ekum, ndingabikho.
7:9b.JOB.007.009 Liphelile ilifu, limkile; Unjalo ohla aye kwelabafileyo, akenyuki.
7:10b.JOB.007.010 Akabi sabuyela endlwini yakhe, Ingabi samazi indawo yakhe.
7:11b.JOB.007.011 Nam andiyi kuwubamba umlomo wam; Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam, Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam.
7:12b.JOB.007.012 Ndilulwandle na, ndiyingwenya na, Ukuba undimisele umlindo?
7:13b.JOB.007.013 Xa bendisithi, Wondithuthuzela umandlalo wam, Sondithwalisisa inkalazo yam isingqengqelo sam:
7:14b.JOB.007.014 Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha, Wandidandathekisa emibonweni,
7:15b.JOB.007.015 Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa; Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la.
7:16b.JOB.007.016 Ndikruqukile; andingi ndingadla bomi ngonaphakade; Ndiyeke, kuba ingumphunga imihla yam.
7:17b.JOB.007.017 Uyintoni na umntu lo, le nto umkhulisayo, Le nto uyisingise kuye intliziyo yakho,
7:18b.JOB.007.018 Umvelele imiso yonke Umcikide imizuzu yonke?
7:19b.JOB.007.019 Kunini na ungawasusi amehlo kum, Ungandiyeki, khe ndiginye amathe?
7:20b.JOB.007.020 Ndithe ndona, ndingakwenza ntoni na? Wena mlindi woluntu, Yini na ukuba undenze itekeni, Ndibe ngumthwalo kum?
7:21b.JOB.007.021 Yini na ukuba ungasixoleli isikreqo sam, ungabudlulisi ubugwenxa bam? Kuba kaloku ndiya kuzilalisa eluthulini; Wondondela kakhulu, ndingabikho.
8
8:1b.JOB.008.001 Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
8:2b.JOB.008.002 Kunini na uthetha izinto ezinje? Engumoya omkhulu amazwi omlomo wakho?
8:3b.JOB.008.003 UThixo angakwenza gwenxa na okusesikweni? USomandla angabenza gwenxa na ubulungisa?
8:4b.JOB.008.004 Ukuba abantwana bakho bathe bamona yena, Wabanikela esandleni sesikreqo sabo;
8:5b.JOB.008.005 Ukuba uthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena, Watarhuzisa kuSomandla;
8:6b.JOB.008.006 Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena, Okunene, wovuka ngoku ngenxa yakho, Alisikelele ikhaya lobulungisa bakho;
8:7b.JOB.008.007 Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane, Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu.
8:8b.JOB.008.008 Kuba khawubuze kwisizukulwana saphambili; Uxunele ekugocagoceni kooyise baso:
8:9b.JOB.008.009 Kuba singabezolo thina, asinakwazi; Ngokuba isisithunzi imihla yethu ehlabathini.
8:10b.JOB.008.010 Abayi kukuyala na abo, bathethe kuwe. Barhole amazwi entliziyweni yabo? bathi,
8:11b.JOB.008.011 Iyakhula na imikhanzi, kungekho mgxobhozo? Iyahluma na ingcobo, kungekho manzi?
8:12b.JOB.008.012 Iseluhlaza, ingekaphiwa, Yoyiphangela ingca yonke ngokoma.
8:13b.JOB.008.013 Unjalo umendo wabo bonke abamlibalayo uThixo, Nethemba lomkhohlisi liyadaka;
8:14b.JOB.008.014 Ngokuba ukugasa kwakhe kuyanqunyulwa; Yindlu yesigcawu ukukholosa kwakhe.
8:15b.JOB.008.015 Wayama ngendlu yakhe, ingemi; Ubambelela kuyo, ingahlali.
8:16b.JOB.008.016 Uluhlaza phambi kwelanga, Namagatya akhe ayaqabela eludongeni lwentsimi yakhe;
8:17b.JOB.008.017 Iingcambu zakhe zijijene emweweni, Utyhudisa ezingcambeni zamatye.
8:18b.JOB.008.018 Ukuba uthe wamginya endaweni yakhe, Yomkhanyela ithi, Andikubonanga.
8:19b.JOB.008.019 Yabona, yiyo le imihlali yendlela yakhe, Ize eluthulini kuntshule abanye.
8:20b.JOB.008.020 Yabona, uThixo akamcekisi ogqibeleleyo, Akababambi ngesandla abenzi bobubi.
8:21b.JOB.008.021 Uya kuwuzalisa umlomo wakho ngokuhleka, Nemilebe yomlomo wakho ngokuduma:
8:22b.JOB.008.022 Abakuthiyayo baya kwambatha ukudana, Ingabi sabakho intente yabangendawo,
9
9:1b.JOB.009.001 Waphendula uYobhi, wathi,
9:2b.JOB.009.002 Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo; Ke angathini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?
9:3b.JOB.009.003 Ukuba uthe yena wafuna ukubambana naye, Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka.
9:4b.JOB.009.004 Ulumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla: Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?
9:5b.JOB.009.005 Uloshenxisa iintaba zingazi, Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;
9:6b.JOB.009.006 Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo, Zididizele iintsika zalo;
9:7b.JOB.009.007 Ulothetha elangeni lingaphumi, Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;
9:8b.JOB.009.008 Ulotwabulula ixulu eyedwa, Anyathele emimangweni yolwandle;
9:9b.JOB.009.009 Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere, namaKroza, nesiLimela, Neengontsi zasezantsi.
9:10b.JOB.009.010 Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa.
9:11b.JOB.009.011 Yabona, udlula phezu kwam, ndingamboni; Uthi phe, ndingamqondi,
9:12b.JOB.009.012 Yabona, exwila, ngubani na ongamnqandayo? Ngubani na ongathi kuye, Wenza ntoni na?
9:13b.JOB.009.013 UThixo akawunqandi umsindo wakhe; Bayasibekeka phantsi kwakhe abancedi bakaRahabhi.
9:14b.JOB.009.014 Ndingathini na ke mna ukumphendula, Ndiwakhethe amazwi am okuphendula kuye?
9:15b.JOB.009.015 Nokuba bendililungisa mna, bendingemphenduli; Ndingatarhuzisa kuphela kumgwebi wam.
9:16b.JOB.009.016 Ukuba bendithe ndabiza, wandiphendula, Bendingekholwa ukuba ulibekele indlebe ilizwi lam;
9:17b.JOB.009.017 Kanye ubeya kundityumza ngoqhwithela, Awandise amanxeba am ngelize,
9:18b.JOB.009.018 Angandiphi nokuba ndiphefumle; Ke ubeya kundihluthisa ngobukrakra.
9:19b.JOB.009.019 Ukuba yinto yamandla ekhalipha, uthi, Ndim okhoyo! Ukuba yinto yomgwebo, uthi, Ngubani na oya kundimema?
9:20b.JOB.009.020 Ukuba bendithe ndalilungisa, umlomo wam ubuya kundigweba; Ukuba bendithe ndagqibelela, ubeya kundenza umjibilizi.
9:21b.JOB.009.021 Ndigqibelele; andiwukhathalele umphefumlo wam; Ndiyabucekisa ubomi bam.
9:22b.JOB.009.022 Kunye oko; ngenxa yoko ndithi, Ogqibeleleyo nongendawo uyabatshabalalisa.
9:23b.JOB.009.023 Ukuba iziniya ithe yabulala ngesiquphe, Uya kugculela ukuqotywa kwabamsulwa.
9:24b.JOB.009.024 Ihlabathi linikelwe esandleni sabangendawo; Uyabugqubuthela ubuso babagwebi balo. Ukuba kanti akunjalo, kwenziwe ngubani na ke?
9:25b.JOB.009.025 Imihla yam ikhawuleze ngaphezu kwesigidimi; Ibalekile, ayibonanga kulungileyo;
9:26b.JOB.009.026 Ithe phe njengemikhombe yeengcongolo, Njengokhozi luxwila ixhoba.
9:27b.JOB.009.027 Ndakuthi, Ndiya kuyilibala inkalazo yam, Ndibuyeke ubuso bam, ndincumeze,
9:28b.JOB.009.028 Ndisuka ndinxunguphale ziimbulaleko zam zonke, Ndazi ukuba akuyi kuthi ndimsulwa.
9:29b.JOB.009.029 Kuthiwa ndingongendawo mna; Yini na le nto ndifumana ndizixhamla?
9:30b.JOB.009.030 Nokuba bendithe ndazihlamba ngamanzi ekhephu, Ndazihlambulula izandla zam ngesepha,
9:31b.JOB.009.031 Ubuya kundithi gxwa emhadini, Ndibe lisikizi nakwiingubo zam.
9:32b.JOB.009.032 Kuba akamntu yena, njengam nje, ukuba ndimphendule, Siye ndawonye ematyaleni.
9:33b.JOB.009.033 Akukho mahluli phakathi kwethu, Wokubeka isandla sakhe phezu kwethu sobabini.
9:34b.JOB.009.034 Makayisuse intonga yakhe kum, Isothuso sakhe masingandidandathekisi:
9:35b.JOB.009.035 Ndothetha ke ndingamoyiki; Kuba andivi kunjalo mna eluvalweni lwam.
10
10:1b.JOB.010.001 Umphefumlo wam udimele bubomi bam; Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam; Ndithethe, ukrakra umphefumlo wam;
10:2b.JOB.010.002 Ndithi kuThixo, Musa ukundigweba; Ndazise ukuba ubambene nam ngani na?
10:3b.JOB.010.003 Kulungile na kuwe ukuba ucudise, Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho, Ulibengezelele iqhinga labangendawo?
10:4b.JOB.010.004 Unamehlo enyama na? Ubona ngokubona komntu na?
10:5b.JOB.010.005 Injengemihla yomntu na imihla yakho, Iminyaka yakho injengemihla yomfo na:
10:6b.JOB.010.006 Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam, Usingxoke isono sam,
10:7b.JOB.010.007 Usazi nje ukuba andingongendawo, Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?
10:8b.JOB.010.008 Izandla zakho zindiyilile, zandenza Ndonke, ngeenxa zonke; uyandiginya noko.
10:9b.JOB.010.009 Khawukhumbule, ukuba undenze ngokodongwe; Ke undibuyisa undise eluthulini!
10:10b.JOB.010.010 Akundithululanga na njengamasi, Wandivuthisa njengengqaka?
10:11b.JOB.010.011 Wandambesa ngolusu nenyama, Wandiphingela ngamathambo nemisipha.
10:12b.JOB.010.012 Undenzele ubomi nenceba, Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.
10:13b.JOB.010.013 Ezi zinto ke wazigusha entliziyweni yakho; Ndiyazi ukuba ubunale ndawo yokuthi:
10:14b.JOB.010.014 Ukuba ndithe ndona, wondibamba undilinde, Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.
10:15b.JOB.010.015 Ukuba ndithe ndabangongendawo, athi ke mna! Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingayiphakamisi intloko yam: Ndihluthi kukucukucezwa, Nakukubona iintsizi zam.
10:16b.JOB.010.016 Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wondizingela njengengonyama, Ubuye wenze ngokubalulekileyo kum;
10:17b.JOB.010.017 Uhlaziye amangqina akho phambi kwam; Uyandise ingqumbo yakho kum, Ibe kukukhululana kwemikhosi eza kum.
10:18b.JOB.010.018 Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni? Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso,
10:19b.JOB.010.019 Ndanga andibangakho, Ngendasuswa esizalweni, ndasiwa engcwabeni.
10:20b.JOB.010.020 Ayimbalwa na imihla yam? Makayeke, Adede kum, ndikhe ndincumeze kancinane,
10:21b.JOB.010.021 Phambi kokuba ndihambe, ndingabi sabuya, Ndiye ezweni lobumnyama nelethunzi lokufa,
10:22b.JOB.010.022 Ezweni elisongelwe bubumnyama njengesithokothoko, Lethunzi lokufa nelesidubedube, Elinkazimlo injengesithokothoko.
11
11:1b.JOB.011.001 Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,
11:2b.JOB.011.002 Le nto ininzi yamazwi ayikuphendulwa na, Indoda elipholopholo igwetyelwe na?
11:3b.JOB.011.003 Ukuphololoza kwakho kuya kubetha athi tu na amadoda, Ukuba ugculele, kungabikho ukuhlazayo?
11:4b.JOB.011.004 Uthi, Iqaqambile imfundiso yam, Ndinyulu emehlweni akho.
11:5b.JOB.011.005 Kodwa akaba uThixo ubethetha, Avule umlomo wakhe kuwe;
11:6b.JOB.011.006 Akuxelele iimfihlakalo zobulumko, Ukuba buphindeke kabini, bayinto ezimasekileyo; Ubuya kwazi ke ukuba uThixo wenze ukuba ubulibale ubugwenxa bakho.
11:7b.JOB.011.007 Unokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo? Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomandla?
11:8b.JOB.011.008 Kuphakame ngokwamazulu; unokwenza ntoni na? Kunzulu kunelabafileyo; unokwazi ntoni na?
11:9b.JOB.011.009 Kukude kunehlabathi ukulinganiswa kwako, Kubanzi kunolwandle.
11:10b.JOB.011.010 Ukuba uthe phe yena, wavingcela, Wamemela ematyaleni, ngubani na onokumnqanda?
11:11b.JOB.011.011 Kuba yena uyabazi abantu abakhohlakeleyo, Uyabubona ubutshinga engaqondelanga.
11:12b.JOB.011.012 Nomntu onjengesidenge angaba nokuqonda, Nethole le-esile lasendle lingaba nokuzalwa lingumntu.
11:13b.JOB.011.013 Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye, Wazolulela izandla zakho kuye:
11:14b.JOB.011.014 Ukuba kuthe kwakho inkohlakalo esandleni sakho, yise kude, Ungabuhlalisi ubugqwetha ezintenteni zakho;
11:15b.JOB.011.015 Okunene, uya kwandula ukubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla, Uthi bhuxe, ungoyiki.
11:16b.JOB.011.016 Kuba wokulibala ukwaphuka kwakho, Ukukhumbule njengamanzi adluleyo;
11:17b.JOB.011.017 Ukudla kwakho ubomi kuvuke, kuqaqambe ngaphezu kwemini enkulu; Nakuba kusongelwe emnyameni, kokhanya njengokusa.
11:18b.JOB.011.018 Wokholosa, ngokuba sekukho ithemba, Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni;
11:19b.JOB.011.019 Ubuthume, kungekho wothusayo, Bakuncekelele abaninzi.
11:20b.JOB.011.020 Ke wona amehlo abangendawo ophelelwa; Idake kubo indawo yokusabela, Ithemba labo libe kukuphuma umphefumlo.
12
12:1b.JOB.012.001 Waphendula uYobhi, wathi,
12:2b.JOB.012.002 Kambe, nini abantu; Buya kufa nani ubulumko.
12:3b.JOB.012.003 Nam ke ndinentliziyo njengani; Andiwi nganeno kwenu. Ngubani na ongazaziyo izinto ezinjalo?
12:4b.JOB.012.004 Ndiyintlekisa kummelwane mna, Endibe ndingonqula uThixo, andiphendule; Uyintlekisa olilungisa, ogqibeleleyo.
12:5b.JOB.012.005 Onelishwa yinto yokudelwa ngokwamabhongo abonwabileyo; Kulungiselwe abanyawo zikhubekayo.
12:6b.JOB.012.006 Kukho ukuchulumacha ezintenteni zababhuqi; Bakholosile abamqumbisayo uThixo, Abafumbatha uThixo esandleni sabo.
12:7b.JOB.012.007 Kodwa khawubuze ezinkomeni, zokuyala; Nasezintakeni zezulu, zokuxelela;
12:8b.JOB.012.008 Thetha nomhlaba, wokuyala; Zokubalisela neentlanzi zolwandle.
12:9b.JOB.012.009 Ngubani na ongaziyo ngezo zinto zonke, Ukuba sisandla sikaYehova esikwenzileyo oko?
12:10b.JOB.012.010 Usesandleni sakhe umphefumlo wezinto zonke eziphilileyo, Nomoya wenyama yonke eyiyeyomntu.
12:11b.JOB.012.011 Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha, Nekhuhlangubo likuve ukudla?
12:12b.JOB.012.012 Emaxhegweni kusebulumkweni, Ebudeni bemihla kusengqondweni,
12:13b.JOB.012.013 Bukuye ubulumko nobugorha, Lelakhe icebo nengqondo.
12:14b.JOB.012.014 Yabona, ugungxula, kungakhiwa. Uyamvalela umntu, kungavulwa,
12:15b.JOB.012.015 Yabona, uyawavala amanzi, atshe; Uyawavulela, aliphethule ilizwe.
12:16b.JOB.012.016 Anaye amandla nozimaso; Ngowakhe odungudelayo nodungudelisayo.
12:17b.JOB.012.017 Umkisa amaphakathi ebhunyulwe, Abagezise nabagwebi.
12:18b.JOB.012.018 Ukhulula imbophelelo yookumkani, Abophe umbhinqo emanqeni abo.
12:19b.JOB.012.019 Umkisa ababingeleli bebhunyulwe, Abazizimakade abaphenule.
12:20b.JOB.012.020 Ususa intetho kwabanyanisekileyo, Ayithabathe imvo kumadoda amakhulu.
12:21b.JOB.012.021 Uphalazela amanene ngendelo, Acombulule uqhwemesha lwabaziingqwemla.
12:22b.JOB.012.022 Utyhila iinzulu zasebumnyameni, Alikhuphele emhlotsheni ithunzi lokufa.
12:23b.JOB.012.023 Ukhulisa iintlanga, azitshabalalise; Uziphangalalisa iintlanga azifuduse.
12:24b.JOB.012.024 Ususa ingqondo kwiintloko zabantu balo ilizwe, Azibhadulise enyanyeni engenandlela.
12:25b.JOB.012.025 Ziphamza emnyameni kungekho kukhanya, Azibhadulise njengamanxila.
13
13:1b.JOB.013.001 Yabona, konke oko likubonile iliso lam, Yakuva indlebe yam, yakuqonda.
13:2b.JOB.013.002 Njengoko nazi ngako, ndiyazi nam; Andiwi nganeno kwenu.
13:3b.JOB.013.003 Kodwa mna ndinga ndingathetha kuSomandla, Ndifuna ukuzihlamba kuThixo.
13:4b.JOB.013.004 Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki, Ningamagqirha angento nonke niphela.
13:5b.JOB.013.005 Anaba benithe tu kanye; Nibe niya kuba nilumkile.
13:6b.JOB.013.006 Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam, Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe.
13:7b.JOB.013.007 UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na, Nimthethelele ngenkohliso na?
13:8b.JOB.013.008 Niya kumnonelela na, Niphikele uThixo na?
13:9b.JOB.013.009 Kolunga na xa athe wanigocagoca? Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu?
13:10b.JOB.013.010 Wonohlwaya inene, Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.
13:11b.JOB.013.011 Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na, Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?
13:12b.JOB.013.012 Izikhumbuzo zenu yimizekeliso yothuthu; Iingqolo zenu zoba ziingqolo zodaka.
13:13b.JOB.013.013 Yithini tu! Ndiyekeni, ukuze ndithethe, Kundihlele okundihlelayo.
13:14b.JOB.013.014 Kungani na ukuba ndiyiphathe inyama yam ngamenyo am, Umphefumlo wam ndiwubeke ezandleni zam?
13:15b.JOB.013.015 Yabona, nokuba uthe wandibulala, ndolindela kuye; Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe.
13:16b.JOB.013.016 Kwaoko koba lusindiso kum: Okuba intshembenxa ingayi kuza ebusweni bakhe.
13:17b.JOB.013.017 Yivani, nikuve ukuthetha kwam, Nengxelo yam, ngeendlebe zenu.
13:18b.JOB.013.018 Khanibone, ndilicacisile ityala lam; Ndiyazi ukuba ndiya kugwetyelwa mna.
13:19b.JOB.013.019 Ngubani na ke ongabambana nam? Kuba bendiya kuthi tu kaloku, ndiphume umphefumlo.
13:20b.JOB.013.020 Kodwa izinto ezimbini musa ukuzenza kum, Ndize ndingazisithelisi ebusweni bakho:
13:21b.JOB.013.021 Isandla sakho sise kude kum, Nesothuso sakho singandidandathekisi.
13:22b.JOB.013.022 Biza ke, ndisabele mna; Mhlawumbi ndithethe, undiphendule.
13:23b.JOB.013.023 Zingaphi na izenzo ezigwenxa, nezono zam? Ndazise isikreqo sam, nesono sam.
13:24b.JOB.013.024 Yini na ukuba ubusithelise ubuso bakho, Ube ndilutshaba kuwe?
13:25b.JOB.013.025 Uya kungcangcazelisa ugxothe igqabi eliphetshethwayo na, Usukele umququ owomileyo na?
13:26b.JOB.013.026 Ngokuba uzibhalela kum izinto ezikrakra, Undidlisa ilifa lezenzo ezigwenxa zobutsha bam;
13:27b.JOB.013.027 Uzifaka esitokisini iinyawo zam, Uwugqala wonke umendo wam; Uzikrwelela umda ojikelezayo izithende zeenyawo zam:
13:28b.JOB.013.028 Mna lo, uhageleyo njengevithi, Njengengubo edliwe ngamanundu.
14
14:1b.JOB.014.001 Umntu, into ezelwe ngumfazi, Imihla yakhe mifutshane, izele ziinkathazo.
14:2b.JOB.014.002 Uphuma njengentyantyambo, abune; Ubaleka njengethunzi, angemi.
14:3b.JOB.014.003 Onjalo umvelela ngeliso lakho, Undimise mna ematyaleni phambi kwakho?
14:4b.JOB.014.004 Akwaba bekukho ohlambulukileyo ophume koyinqambi! Akukho nokuba abe mnye.
14:5b.JOB.014.005 Imisiwe nje imihla yakhe, Liyaziwa nguwe inani leenyanga zakhe; Umenzele ke umda wakhe ongenakugqithwa.
14:6b.JOB.014.006 Susa amehlo akho kuye, aphumle, Ade akholiswe njengomqeshwa yimini yakhe.
14:7b.JOB.014.007 Kuba kukho ithemba emthini; Ukuba uthe wagawulwa, wobuya uhlume, Igatya lawo lingapheli.
14:8b.JOB.014.008 Ukuba ithe yaba ndala ingcambu yawo emhlabeni, Safa isibili sawo eluthulini:
14:9b.JOB.014.009 Ngevumba lamanzi wodubula, Wenze amasebe njengesithodlana.
14:10b.JOB.014.010 Ke yena umfo ufa angquleke; Umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke?
14:11b.JOB.014.011 Amanzi aselwandle ayemka; Umlambo uyatsha, wome:
14:12b.JOB.014.012 Umntu ulala phantsi ke, angavuki; Lide izulu lingabikho, bangaqabuki, Bangavuswa ebuthongweni babo.
14:13b.JOB.014.013 Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo, Undisithelise ude ubuye umsindo wakho; Undimisele umda, undikhumbule ke!
14:14b.JOB.014.014 Ukuba uthe umfo wafa, wophila na? Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda, Kude kufike ukukhululwa kwam.
14:15b.JOB.014.015 Ubungabizayo ke, ndisabele mna, Uwulangazele umsebenzi wezandla zakho.
14:16b.JOB.014.016 Kuba ngoku uyawabala amabanga am, Akuzigcinile ngenxa yesono sam.
14:17b.JOB.014.017 Sitywiniwe savingcelwa engxoweni isikreqo sam; Wahlomela ebugwenxeni bam.
14:18b.JOB.014.018 Kodwa intaba, isiwa, iyagubeka; Iliwa liyashenxa endaweni yalo;
14:19b.JOB.014.019 Amanzi ayawadla amatye; Iziphango zawo ziyalukhukulisa uthuli lomhlaba; Ithemba lomntu uyalidakisa ke.
14:20b.JOB.014.020 Uthi gaga phezu kwakhe kuphele, emke; Uguqula ubuso bakhe, umgxothe.
14:21b.JOB.014.021 Bayazuka abantwana bakhe, angazi yena; Baba ziimbedlenge, angagqali yena.
14:22b.JOB.014.022 Kuye yedwa ibuhlungu inyama yakhe, Umphefumlo wakhe uyalila ngaphakathi.
15
15:1b.JOB.015.001 Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
15:2b.JOB.015.002 Isilumko siphendula ngokwazi okungumoya na, Sizalise umbilini waso ngolophu lwasempumalanga na?
15:3b.JOB.015.003 Khe sohlwaye ngentetho engancediyo na, Nangokukhuluma okungasizi lutho na?
15:4b.JOB.015.004 Phezu koko wena utshitshise ukoyika uThixo, Wanciphisa ukuthelekelela phambi koThixo;
15:5b.JOB.015.005 Ngokuba ubugwenxa bakho bufundisa umlomo wakho, Unyule ulwimi lwabanobuqhophololo.
15:6b.JOB.015.006 Ngumlomo wakho okugwebayo, asindim; Ngumlomo wakho okuphendulayo.
15:7b.JOB.015.007 Nguwe na owazalwa kuqala, waba ngumntu? Waveliswa ngenimba ngaphambi kweenduli?
15:8b.JOB.015.008 Wawukho na egquguleni likaThixo? Wabutsalela kuwe na ubulumko obo?
15:9b.JOB.015.009 Wazi ntoni na, esingayaziyo thina? Uqonde ntoni na, engekhoyo nathi kuthi?
15:10b.JOB.015.010 Kunje thina siziingwevu namaxhego, Amadala nakuyihlo ngokuzalwa.
15:11b.JOB.015.011 Zincinane na kuwe iintuthuzelo zikaThixo, Nelizwi elithethe kuhle nawe?
15:12b.JOB.015.012 Imka nantoni na intliziyo yakho? Aphanyazela ntoni na emehlo akho,
15:13b.JOB.015.013 Le nto ukuguqulela kuThixo ukufutha kwakho, Ukhuphe ukuthetha emlonyeni wakho?
15:14b.JOB.015.014 Uyintoni na umntu, ukuba aqaqambe? Abe lilungisa ozelwe ngumfazi?
15:15b.JOB.015.015 Yabona, nabangcwele bakhe akakholwa ngabo, Nezulu aliqaqambile emehlweni akhe.
15:16b.JOB.015.016 Ubeke phi na olisikizi, oyimbozisa; Umntu lo, usela ubugqwetha njengamanzi?
15:17b.JOB.015.017 Ndokuxelela, ndiphulaphule; Endikubonileyo ndikubalisele;
15:18b.JOB.015.018 Okwaxelwa zizilumko, Kuvela kooyise, zaza azakufihla.
15:19b.JOB.015.019 Lanikwa zona zodwa ilizwe, Akwangena wasemzini phakathi kwazo.
15:20b.JOB.015.020 Yonke imihla yakhe, ongendawo uyazibhijabhija; Inani leminyaka liqwetyelwe ingqwangangqwili.
15:21b.JOB.015.021 Kumi ilizwi lokunkwantyisa ezindlebeni zakhe, Eluxolweni uyamfikela umbhuqi.
15:22b.JOB.015.022 Akakholwa ukuba uya kubuya emnyameni; Ke yena uqwetyelwe ikrele.
15:23b.JOB.015.023 Uphalaphalela ukutya, esithi, Kuphi na? Uyazi ukuba ulungiselwe imini yobumnyama ecaleni kwakhe.
15:24b.JOB.015.024 Udandathekiswa yimbandezelo nayingcutheko; Ithi gaga phezu kwakhe, njengokumkani olungiselwe isiphendu sokulwa.
15:25b.JOB.015.025 Ngokuba esolulele kuThixo isandla sakhe, Wazenza igorha kuSomandla:
15:26b.JOB.015.026 Wamgila, eyolule intamo, Ngamaqhubu angqingqwa eengweletshetshe zakhe;
15:27b.JOB.015.027 Ngokuba egubungele ubuso bakhe ngamanqatha akhe, Watyeba wanamanqatha emihlubulweni yakhe.
15:28b.JOB.015.028 Wema imizi engamanxuwa, Nezindlu ezingezakuhlalwa, Ezamiselwa ukuba zibe yimiwewe.
15:29b.JOB.015.029 Akayi kuba sisityebi, abuyi kuma ubutyebi bakhe; Inzuzo yakhe ayiyi kunaba emhlabeni.
15:30b.JOB.015.030 Akayi kusinda ebumnyameni; Igatya lakhe liya komiswa ngedangatye; Emke ngokufutha komlomo wakhe.
15:31b.JOB.015.031 Okhohliswayo makangathembeli kumampunge; Kuba inkohlakalo iya kuba lulwanano lwakhe.
15:32b.JOB.015.032 Kozaliseka oko ingekabi yimini yakhe, Isebe lakhe lesundu lingabi luhlaza.
15:33b.JOB.015.033 Wowisa njengomdiliya uwisa iidiliya zawo ezikrwada; Avuthulule njengomnquma intyantyambo yawo.
15:34b.JOB.015.034 Kuba ibandla leentshembenxa liya kuba njengento embatshileyo, Umlilo uzitshise iintente zokucenga.
15:35b.JOB.015.035 Bakhawula ububi, bazale ubutshinga, Umbilini wabo usebenze inkohliso.
16
16:1b.JOB.016.001 Waphendula uYobhi, wathi,
16:2b.JOB.016.002 Ndive izinto ezininzi ezinjengezo; Ningabathuthuzeli abayindinisa, nonke niphela.
16:3b.JOB.016.003 Aphelile na amazwi angumoya? Uxhokonxwa yintoni na, ukuba uphendule?
16:4b.JOB.016.004 Nam ndibe ndingathethayo njengani. Ukuba umphefumlo wenu ubusendaweni yomphefumlo wam. Ndibe ndinganiqukela ukuthetha, Ndinihlunguzele intloko;
16:5b.JOB.016.005 Ndibe ndinganikhaliphisa ngomlomo wam, Nokukhuza komlomo wam kulunqande usizi lwenu.
16:6b.JOB.016.006 Nokuba ndithe ndathetha, awunqandwa umvandedwa wam; Nokuba ndithe ndayeka, kumka ntoni na kum?
16:7b.JOB.016.007 Hayi, ngoku undidinisile; Uliphanzisile lonke ibandla lam.
16:8b.JOB.016.008 Undintshwenyisile, kwaba lingqina oko; Kwandimela ukubhitya kwam, Kwaphendula ebusweni bam.
16:9b.JOB.016.009 Umsindo wakhe wandiqwenga, wanditshutshisa; Uditshixizele amenyo akhe; Engumbandezeli wam, uwenze abukhali amehlo akhe kum.
16:10b.JOB.016.010 Bandakhamele umlomo; Ngengcikivo bandibetha ezidleleni; Bonke bayathelelana ukundichasa.
16:11b.JOB.016.011 UThixo wandinikela kumakhwenkwe, Wandijulela ezandleni zabangendawo.
16:12b.JOB.016.012 Ndibi ndichulumacha, wandivithavitha, Wandibamba ngentamo, wandihlekeza, Wandimisa ndaba yitekeni kuye.
16:13b.JOB.016.013 Bandirhawula abatoli bakhe, Wazityanda izintso zam, engenalufefe, Wayiphalazela emhlabeni inyongo yam.
16:14b.JOB.016.014 Wandenza iinduma ngeenduma, Wandigila njengegorha.
16:15b.JOB.016.015 Ndathungela iingubo ezirhwexayo enkwaneni yolusu lwam, Ndalugquba ngothuli uphondo lwam.
16:16b.JOB.016.016 Ubuso bam bubomvu kunene kukulila, Phezu kweenkophe zam lithunzi lokufa;
16:17b.JOB.016.017 Nakuba kungekho kugonyamela ezandleni zam, Uqaqambile umthandazo wam.
16:18b.JOB.016.018 Mhlaba, musa ukuliselela igazi lam, Kungabi nasikhundla ukuhlahlamba kwam.
16:19b.JOB.016.019 Nangoku, yabona, lisemazulwini ingqina lam; Ondivumelayo usezindaweni eziphezulu.
16:20b.JOB.016.020 Abandigxekayo ngabethu aba; Iliso lam liyengezela kuThixo,
16:21b.JOB.016.021 Ukuba alungisele umfo kuThixo, Ahlule phakathi komntu nommelwane wakhe.
16:22b.JOB.016.022 Kuba iminyaka embalwa iza kudlula, Ndihambe ke umendo endingayi kubuya ngawo.
17
17:1b.JOB.017.001 Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba.
17:2b.JOB.017.002 Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo.
17:3b.JOB.017.003 Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?
17:4b.JOB.017.004 Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.
17:5b.JOB.017.005 Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.
17:6b.JOB.017.006 Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni.
17:7b.JOB.017.007 Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.
17:8b.JOB.017.008 Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.
17:9b.JOB.017.009 Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.
17:10b.JOB.017.010 Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.
17:11b.JOB.017.011 Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam.
17:12b.JOB.017.012 Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.
17:13b.JOB.017.013 Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni;
17:14b.JOB.017.014 Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu:
17:15b.JOB.017.015 Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona?
17:16b.JOB.017.016 Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini.
18
18:1b.JOB.018.001 Waphendula uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
18:2b.JOB.018.002 Kunini na nikuzingela ukuthetha? Qondani, sothetha emveni koku.
18:3b.JOB.018.003 Yini na ukuba kuthiwe sinjengeenkomo, Sibe ziinqambi emehlweni akho?
18:4b.JOB.018.004 Wena uziqwengayo ngomsindo wakho, Liya kushiywa ihlabathi ngenxa yakho, lingamiwa na? Likhwelele iliwa endaweni yalo?
18:5b.JOB.018.005 Noko nokukhanya oku kongendawo kuya kucinywa, Lingabi mhlophe ilangatye lomlilo wakhe.
18:6b.JOB.018.006 Ukukhanya kuya kwenziwa mnyama ententeni yakhe, Nesibane sakhe sicinywe phezu kwakhe.
18:7b.JOB.018.007 Ukunyantsula kwakhe kuya kuxinwa, Limphose phantsi kwaelakhe iqhinga.
18:8b.JOB.018.008 Kuba uqhutyelwe emnatheni ziinyawo zakhe, Uhamba phezu kwesibatha.
18:9b.JOB.018.009 Umgibe umbambisa ngesithende, Limbambise isango.
18:10b.JOB.018.010 Lufihliwe emhlabeni ulutya lwakhe, Ukuthiwa hlasi kwakhe kusengqushwini.
18:11b.JOB.018.011 Uyadandathekiswa ngeenxa zonke kukukhwankqisa, Kumbhebhethe, kuthane mbende naye.
18:12b.JOB.018.012 Amandla akhe aya kuphela kukulamba, Ukusindeka kulungiselwe ukujingxela kwakhe.
18:13b.JOB.018.013 Kudla iziqendu zolusu lwakhe; Udla iziqendu zakhe owamazibulo wokufa.
18:14b.JOB.018.014 Iyancothuka ententeni yakhe inkoloseko yakhe, Ahanjiselwe kukumkani wokukhwankqisa.
18:15b.JOB.018.015 Kuhleli ententeni yakhe izinto zasemzini; Kugcwayelwa isulfure ekhayeni lakhe.
18:16b.JOB.018.016 Ngaphantsi ziya koma iingcambu zakhe, Ngaphezulu abune amasebe akhe.
18:17b.JOB.018.017 Isikhumbuzo sakhe siya kudaka ehlabathini, Angabi nagama nasemaphandleni.
18:18b.JOB.018.018 Baya kumtyhala ekukhanyeni, aye ebumnyameni, Aphekuzwe kwelimiweyo.
18:19b.JOB.018.019 Akayi kuba nanyana nanzala ebantwini bakowabo, Kungabikho usindileyo emizini yakhe.
18:20b.JOB.018.020 Bomangaliswa yimini yakhe abahleli entshonalanga, Nabasempumalanga babanjwe kukuba namanwele.
18:21b.JOB.018.021 Inene, injalo iminquba yabanobugqwetha, Injalo indawo yongamaziyo uThixo.
19
19:1b.JOB.019.001 Waphendula uYobhi, wathi,
19:2b.JOB.019.002 Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam, Nindityumza ngokuthetha?
19:3b.JOB.019.003 Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile; Anidanile, niyandikhwankqisa.
19:4b.JOB.019.004 Khona ke ndithe okunene ndalahleka, Kuhleli nam ukulahleka kwam.
19:5b.JOB.019.005 Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum, Nandohlwaya ngengcikivo yam:
19:6b.JOB.019.006 Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo, Wandirhawula ngomnatha wakhe.
19:7b.JOB.019.007 Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa; Ndiyazibika, kungabikho kulungisa.
19:8b.JOB.019.008 Uyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha; Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama.
19:9b.JOB.019.009 Undihlube uzuko lwam, Wasusa isithsaba sentloko yam.
19:10b.JOB.019.010 Undidilizile ngeenxa zonke, ndemka; Walincothula njengomthi ithemba lam.
19:11b.JOB.019.011 Uwuvuthise ngakum umsindo wakhe, Wandibalela ekuthini ndingowababandezeli bakhe.
19:12b.JOB.019.012 Zeza kunye izimpi zakhe, Zandifumbela indlela yazo, Zayizunguleza ngeenxa zonke intente yam.
19:13b.JOB.019.013 Abazalwana bam ubase kude kum, Abandaziyo sebengabasemzini kanye kum.
19:14b.JOB.019.014 Izalamane zam zindishiyile, Nabazana nam bandilibele.
19:15b.JOB.019.015 Abahlala endlwini yam, nabakhonzazana bam, Bandibalele ekuthini ndingowasemzini, Ndingowolunye uhlanga emehlweni abo.
19:16b.JOB.019.016 Ndibiza umkhonzi wam, angasabeli; Ndimbongoze ngomlomo wam.
19:17b.JOB.019.017 Umoya wam umkruqule umkam; Ndiyanuka kubantwana besizalo esandizalayo.
19:18b.JOB.019.018 Namakhwenkwe ayandicekisa; Ndakusuka, asuka athethe ngam.
19:19b.JOB.019.019 Ndilisikizi kumakholwane am, Nabendibathanda bandiguqukele.
19:20b.JOB.019.020 Amathambo am atshele eluswini lwam nasenyameni yam; Ndisinde macebetshu.
19:21b.JOB.019.021 Tarhuni, tarhuni, zihlobo zam; Kuba isandla sikaThixo sindiphethe.
19:22b.JOB.019.022 Yini na ukuba nindisukele njengoThixo, Ninganeli yinyama yam?
19:23b.JOB.019.023 Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am! Akwaba ebekrolwe encwadini!
19:24b.JOB.019.024 Ngentlabo yesinyithi, atyhidwe ngelothe, Axholelwe eweni nanini!
19:25b.JOB.019.025 Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli; Engowokuphela, uya kusuka eme phezu kothuli lwehlabathi.
19:26b.JOB.019.026 Emveni kokuba ulusu lwam ludlavulwe lwanje, Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo,
19:27b.JOB.019.027 Endiya kuzibonela mna ngokwam; Amehlo am ambone, ingabi wumbi. Ziyaphelelwa izintso zam ngaphakathi kwam.
19:28b.JOB.019.028 Ukuba nithi, Simsukela ngani na? Ingcambu yaloo nto ifunyenwe kum:
19:29b.JOB.019.029 Nxunguphalani likrele; Kuba ubushushu, bubo ubugwenxa obufanele ikrele, Ukuze nazi ukuba kukho umgwebo.
20
20:1b.JOB.020.001 Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,
20:2b.JOB.020.002 Ngako oko iingcingangcinga zam ezi ziyandiphendula, Ngenxa yokuthabatheka kwam ngaphakathi kwam.
20:3b.JOB.020.003 Ukuthethisa okundihlazayo ndiyakuva, Ke umoya uyandiphendula engqondweni yam.
20:4b.JOB.020.004 Oku uyakwazi na kambe kwanini, Kususela koko lwabekwayo uluntu ehlabathini:
20:5b.JOB.020.005 Ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane, Ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo?
20:6b.JOB.020.006 Nokuba kuthe kwenyuka kwaya ezulwini ukuphakama kwakhe, Intloko yakhe wayifikisa emafini:
20:7b.JOB.020.007 Njengelindle lakhe uya kudaka kuphele, Abambonayo bathi, Uphi na?
20:8b.JOB.020.008 Uya kuphaphazela emke njengephupha, angafunyanwa, Aphekuzwe njengombono wobusuku.
20:9b.JOB.020.009 Iliso elikhe lambona, aliyi kuphinda; Indawo yakhe ayisayi kumalama.
20:10b.JOB.020.010 Abantwana bakhe baya kungxengxezela abasweleyo, Izandla zakhe zibuyise imfuyo yakhe.
20:11b.JOB.020.011 Amathambo akhe ebezele bubutsha; Bolaliswa phantsi naye eluthulini.
20:12b.JOB.020.012 Nokuba ububi bebunencasa emlonyeni wakhe, Wabugusha phantsi kolwimi lwakhe,
20:13b.JOB.020.013 Wabuconga akabuyeka, Wabuthintela ekhuhlangubeni lakhe;
20:14b.JOB.020.014 Isonka sakhe sibhuqukile emathunjini akhe, Yinyongo yamaphimpi embilinini wakhe.
20:15b.JOB.020.015 Uginye ubutyebi, wabuhlanza; Uyabukhupha esiswini sakhe uThixo.
20:16b.JOB.020.016 Womungunya ubuhlungu bamaphimpi, Lumbulale ulwimi lwenyushu.
20:17b.JOB.020.017 Akayi kubona mijelo, Milambo, zihlambo zobusi namasi.
20:18b.JOB.020.018 Ebuyisa awakuxelengayo, akakuginyi; Angavuyi ngangobutyebi aburhwebileyo.
20:19b.JOB.020.019 Kuba wabathi viki, wabalahla, abasweleyo; Waxhakamfula indlu, angayakhanga.
20:20b.JOB.020.020 Kuba engalwazanga uxolo esiswini sakhe, Akayi kusinda nezinto zakhe ezinqwenelekayo.
20:21b.JOB.020.021 Bekungekho nto isindayo emqaleni wakhe; Ngenxa yoku, aziyi kuhlala izinto zakhe ezilungileyo.
20:22b.JOB.020.022 Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile, Izandla zonke zabangento ziyamfikela.
20:23b.JOB.020.023 Kothi, ukuze sizaliswe isisu sakhe, UThixo athumele kuye ukuvutha komsindo wakhe, Awunise phezu kwakhe enyameni yakhe.
20:24b.JOB.020.024 Ebaleka isikrweqe sesinyithi, Lomphumela utolo lwesaphetha sobhedu.
20:25b.JOB.020.025 Lurholiwe, lwaphuma emzimbeni, Nenyembe ebengezelayo enyongweni yakhe; Uyemka, izothuso ziphezu kwakhe.
20:26b.JOB.020.026 Ubumnyama bonke bubekelwe iingqwebo zakhe; Udliwa ngumlilo ongavuthelwanga; Ugqibe okusindileyo ententeni yakhe.
20:27b.JOB.020.027 Izulu lobutyhila ubugwenxa bakhe, Nehlabathi lisukele phezulu kuye.
20:28b.JOB.020.028 Iya kufuduswa indyebo yendlu yakhe, Ikhukuliswe ngomhla womsindo wakhe.
20:29b.JOB.020.029 Siso eso isabelo somntu ongendawo, sivela kuThixo, Nelifa alimiselweyo yena nguThixo.
21
21:1b.JOB.021.001 Waphendula uYobhi, wathi,
21:2b.JOB.021.002 Yivani, nikuve ukuthetha kwam; Kube ziintuthuzelo zenu oku.
21:3b.JOB.021.003 Ndithwaleni, ndithethe nam; Nigculele emva kwamazwi am.
21:4b.JOB.021.004 Mna, inkalazo yam isemntwini yini na? Khona bekungani ukuba ungazekaneki umoya wam?
21:5b.JOB.021.005 Bhekani kum, nimangaliswe; Bekani isandla emlonyeni.
21:6b.JOB.021.006 Okunene, ndakukhumbula, ndisuka ndikhwankqiswe, Nenyama yam ibanjwe kukududuzela.
21:7b.JOB.021.007 Yini na ukuba abangendawo badle ubomi, Babe badala, kananjalo bomelele, babe namandla?
21:8b.JOB.021.008 Imbewu yabo iqinile phambi kwabo, inabo; Nabaphume embilinini wabo basemehlweni abo.
21:9b.JOB.021.009 Izindlu zabo zinoxolo, kungekho kunkwantya, Nentonga kaThixo ayibafikeli.
21:10b.JOB.021.010 Inkunzi yabo iyazeka ingahlohleli; Imazi yabo iyazala ingaphunzi.
21:11b.JOB.021.011 Bayawakhuphela njengomhlambi amakhwenkwe abo, Nabantwana babo bayadloba.
21:12b.JOB.021.012 Baphakamisa ilizwi benengqongqo nohadi, Bavuye lilizwi logwali.
21:13b.JOB.021.013 Bayayigqiba imihla yabo ngokuchwayitha, Behle ngephanyazo ukuya kwelabafileyo.
21:14b.JOB.021.014 Bathi kuThixo, Suka kuthi, Asikunanzile ukuzazi iindlela zakho.
21:15b.JOB.021.015 Uyini na uSomandla, ukuba simkhonze? Kusinceda ntoni na ukumjoka?
21:16b.JOB.021.016 Yabona, azisesandleni sabo izinto zabo ezilungileyo; Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
21:17b.JOB.021.017 Kukangaphi na ke isibane sabangendawo sicinywa? Kubafikela ukusindeka kwabo? Ababele uThixo izintya ngomsindo wakhe?
21:18b.JOB.021.018 Babe njengengca enqunqiweyo phambi komoya, Njengomququ ohlaselwa sisaqhwithi?
21:19b.JOB.021.019 Nithi, UThixo ububekela abantwana babo ubutshinga babo. Makabuphindezele kubo ngokwabo, bazi bona;
21:20b.JOB.021.020 Makayibone inkxwaleko yabo amehlo abo, Babusele ubushushu boSomandla.
21:21b.JOB.021.021 Ngokuba bayinanze ngani bona indlu yabo emva kwabo, Lakuqhitshulwa inani leenyanga zabo?
21:22b.JOB.021.022 Uya kufundiswa ukwazi uThixo na, Lowo ugweba abaphezulu?
21:23b.JOB.021.023 Omnye ufa emandleni okwakhe ukuphila, Onwabile kanye, echulumachile.
21:24b.JOB.021.024 Iimvaba zakhe zizele ngamasi, Nomongo wamathambo akhe utyebile.
21:25b.JOB.021.025 Omnye ufa ukrakra umphefumlo wakhe, Engadlanga zinto zilungileyo.
21:26b.JOB.021.026 Balala ndawonye eluthulini, Iimpethu ziyabagubungela bobabini.
21:27b.JOB.021.027 Yabona, ndiyazazi iingcinga zenu, Namayelenqe enindigonyamela ngawo.
21:28b.JOB.021.028 Xa nithi, Iphi na indlu yesibhovubhovu? Iphi na intente ebalulekileyo yabangendawo?
21:29b.JOB.021.029 Anibuzanga na kwabadlula ngendlela? Imiqondiso yabo ninako na ukuyikhanyela?
21:30b.JOB.021.030 Ukuba ngemini yokusindeka wanqandwa ongendawo, Ngemini yokuphuphuma umsindo wemkiswa?
21:31b.JOB.021.031 Ngubani na ongaxela ebusweni bakhe indlela yakhe? Enze into yena, ngubani na oya kuphindezela kuye?
21:32b.JOB.021.032 Usiwa emangcwabeni yena, Alinde esigangeni.
21:33b.JOB.021.033 Anencasa kuye amagada esihlambo; Emva kwakhe kulandela lonke uluntu, Nangaphambi kwakhe belungenakubalwa.
21:34b.JOB.021.034 Ningathini na ke ukundithuthuzela ngeento ezingento, limpendulo zenu zisele zibubumenemene nje?
22
22:1b.JOB.022.001 Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
22:2b.JOB.022.002 Umfo unokumnceda na uThixo? Hayi bo! Uzinceda ngokwakhe oqiqayo.
22:3b.JOB.022.003 Kumnandi na kuSomandla, xa ulilungisa? Kuyinzuzo na kuye, ukuba uyazigqibelelisa iindlela zakho?
22:4b.JOB.022.004 Uya kukohlwaya na ngenxa yokoyika kwakho uThixo, Aye nawe ematyaleni?
22:5b.JOB.022.005 Ububi bakho abubukhulu na? Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na?
22:6b.JOB.022.006 Kuba ububambise umzalwana wakho ngelize, Ububahluba abaze iingubo.
22:7b.JOB.022.007 Ubungamsezi manzi otyhafileyo, Olambileyo ubumwimba ukutya.
22:8b.JOB.022.008 Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe; Obekekileyo ubehlala kulo.
22:9b.JOB.022.009 Abahlolokazi ububandulula belambatha, Neengalo zeenkedama ubuzityumza.
22:10b.JOB.022.010 Ngenxa yoko imigibe ikujikelezile, Ukhwankqiswe ngesiquphe kukunkwantyiswa.
22:11b.JOB.022.011 Khona akububoni na ubumnyama, Nobuninzi bamanzi akugubungelayo?
22:12b.JOB.022.012 UThixo ukuphakama kwakhe asikokwamazulu yini na? Bona ke intloko yazo iinkwenkwezi, ukuba phezulu kwayo!
22:13b.JOB.022.013 Uthi ke wena, Wazi ntoni na uThixo? Unokugweba na, engaphaya kobumnyama bamafu?
22:14b.JOB.022.014 Amafu amsithile, akaboni; Uzihambela okwakhe esazingeni samazulu.
22:15b.JOB.022.015 Umendo wasephakadeni uya kuwugcina na, Abawunyatheleyo abantu abanobutshinga?
22:16b.JOB.022.016 Abashwabene lingekabi lixesha; Lwanyibilika, lwangumsinga useko lwabo,
22:17b.JOB.022.017 Ababesithi kuThixo, Suka kuthi; Angabenza ntoni na uSomandla?
22:18b.JOB.022.018 Kanti ebenguye ozalisa izindlu zabo ngezinto ezilungileyo. Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
22:19b.JOB.022.019 Aya kubona oko amalungisa, avuye; Omsulwa uyabagculela, esithi,
22:20b.JOB.022.020 Inene, abasukele phezulu kum bathe shwaka, Wakudla umlilo ukuphuphuma kwabo.
22:21b.JOB.022.021 Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo; Ngaloo nto wozelwa kokulungileyo.
22:22b.JOB.022.022 Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe, Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho.
22:23b.JOB.022.023 Ukuba uthe wabuyela kuSomandla, uya kwakhiwa. Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho,
22:24b.JOB.022.024 Walibeka eluthulini ilitye legolide, Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire:
22:25b.JOB.022.025 USomandla woba lilitye legolide kuwe, Nesilivere ebengezelayo kakhulu.
22:26b.JOB.022.026 Ngokuba uya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla, Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho.
22:27b.JOB.022.027 Wothandaza kuye, eve, Uzizalise izibhambathiso zakho;
22:28b.JOB.022.028 Usongele into, ifezeke kuwe; Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe.
22:29b.JOB.022.029 Xa zithe zehla, wothi, Phezulu! Amsindise omehlo aqondele phantsi.
22:30b.JOB.022.030 Uya kusindisa nongemsulwa, Asizwe bubunyulu bezandla zakho.
23
23:1b.JOB.023.001 Waphendula uYobhi, wathi,
23:2b.JOB.023.002 Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani, Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam.
23:3b.JOB.023.003 Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona, Ndize esihlalweni sakhe!
23:4b.JOB.023.004 Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam, Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko.
23:5b.JOB.023.005 Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako, Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum.
23:6b.JOB.023.006 Wobambana nam ngamandla amakhulu na? Hayi! Kodwa ke wondigqala.
23:7b.JOB.023.007 Oko othe tye ubeya kubonisana naye, Ndisinde kumgwebi wam, kuphele.
23:8b.JOB.023.008 Yabona, ndisinga phambili, angabikho; Nangasemva, ndingamnakani;
23:9b.JOB.023.009 Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingamalami; Xa atyekela ngasekunene, ndingamboni.
23:10b.JOB.023.010 Kuba uyayazi indlela enam; Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.
23:11b.JOB.023.011 Unyawo lwam lubambe umkhondo wakhe, Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala.
23:12b.JOB.023.012 Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga; Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo.
23:13b.JOB.023.013 Ke yena umi ndaweni-nye, ngubani na ongambuyisayo? Umphefumlo wakhe ukhanukile, uya kwenza oko.
23:14b.JOB.023.014 Kuba uya kukufeza oko ndikumiselweyo; Zininzi ke izinto ezinje kuye.
23:15b.JOB.023.015 Ngenxa yoko ndikhwankqiswe ebusweni bakhe. Ndakukugqala, ndisuka ndinkwantye nguye.
23:16b.JOB.023.016 UThixo uyiqobisile intliziyo yam. USomandla undikhwankqisile.
23:17b.JOB.023.017 Kuba andibhangiswanga ngenxa yobumnyama, Nangenxa yobuso bam obugutyungelwe sisithokothoko.
24
24:1b.JOB.024.001 Yini na ukuba kungabekwa maxesha nguSomandla? Yini na ukuba abamaziyo bangaziboni iimini zakhe?
24:2b.JOB.024.002 Kushenxiswa imilimandlela; Kuphangwa imihlambi, yaluswe.
24:3b.JOB.024.003 Kuqhutywa kumkiwe ne-esile lenkedama, Kubanjiswe ngenkomo yomhlolokazi.
24:4b.JOB.024.004 Kugilwa amahlwempu endleleni, Bazimele ndawonye abaziintsizana belizwe.
24:5b.JOB.024.005 Khangela, njengamaesile asendle entlango, Baphuma ngomsebenzi wabo, befuna kwakusasa into yokudla; Inkqantosi sisonka sabantwana kubo.
24:6b.JOB.024.006 Esisimini bavuna ukutya kwabo, Babhikice esidiliyeni songendawo.
24:7b.JOB.024.007 Balala ze bengenangubo, Abananto yokuzigubungela engqeleni,
24:8b.JOB.024.008 Bayanetha sisiphango seentaba; Bancathama ngeliwa, bengenandawo yakuzimela.
24:9b.JOB.024.009 Kuhluthwa ebeleni iinkedama, Koniwe abaziintsizana.
24:10b.JOB.024.010 Bahamba ze, bengenangubo; Bathwala izithungu, belambile.
24:11b.JOB.024.011 Phakathi kweendonga zabaya bakhama ioli, Baxovula ezixovulelweni zewayini, benxaniwe noko.
24:12b.JOB.024.012 Emizini kugula amadoda, Nomphefumlo wabangxwelerhiweyo uyakhala; Kanti uThixo akathi bubuhilihili.
24:13b.JOB.024.013 Ngabo abo bagwilika ekukhanyeni; Abanakwazana neendlela zako, Abahlali ezingqushwini zako.
24:14b.JOB.024.014 Kusathi qhiphu ukusa, kuvuka isihange, Sibulale iintsizana namahlwempu; Ebusuku sibe njengesela.
24:15b.JOB.024.015 Iliso lomkrexezi ligcine ungcwalazi; Uthi, Akukho liso liya kundalama, Anxibe isigqubuthelo ebusweni.
24:16b.JOB.024.016 Bagqobhoza izindlu emnyameni; Emini bayazivalela, Abazani nokukhanya.
24:17b.JOB.024.017 Ngokuba ubumnyama obuthe shinyi bukukuza kokusa kubo bonke; Ngokuba bazana nokhwankqiso lobumnyama obuthe shinyi.
24:18b.JOB.024.018 Bayakhawuleza phezu kwamanzi; Sitshabhisiwe isabelo sabo ehlabathini; Abasasingi endleleni yesidiliya.
24:19b.JOB.024.019 Amanzi ekhephu ahluthwa ngumqwebedu nakukubalela; Aboni bahluthwa lelabafileyo.
24:20b.JOB.024.020 Sibalibele isizalo; iimpethu ziyabamunya, Ababi sakhunjulwa; Baphulwe ke njengomthi ubugqwetha.
24:21b.JOB.024.021 Bamphanga kakubi oludlolo, ongazalanga; Abangamenzelanga okulungileyo umhlolokazi.
24:22b.JOB.024.022 Wolula imihla yeembalasane ngamandla akhe, Ziphakame bezise zibuncamile ubomi.
24:23b.JOB.024.023 Uzinika inkoloseko, zayame, Amehlo akhe abe phezu kweendlela zazo,
24:24b.JOB.024.024 Ziphakame: kube mzuzwana zingabikho. Zithe ngqu, zibuthiwe njengabanye bonke, Zinqanyulwe njengesikhwebu sengqolowa.
24:25b.JOB.024.025 Ukuba kanti akunjalo, ngubani na owondenza othetha amanga, Akwenze into engento ukuthetha kwam?
25
25:1b.JOB.025.001 Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
25:2b.JOB.025.002 Ulawulo nonkwantyiso lunaye; Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu.
25:3b.JOB.025.003 Inokubalwa na imikhosi yakhe? Ngubani na ongaphunyelwayo kukukhanya kwakhe?
25:4b.JOB.025.004 Angathini na umntu ukuba lilungisa kuThixo? Angathini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?
25:5b.JOB.025.005 Yabona, nenyanga ayimhlophe, Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe.
25:6b.JOB.025.006 Ubeke phi na ke umntu, impethu le, Nonyana ka-Adam, umbungu lo?
26
26:1b.JOB.026.001 Waphendula uYobhi, wathi,
26:2b.JOB.026.002 Utheni na wena ukumnceda ongenamandla, Nokuyisindisa ingalo engenamandla?
26:3b.JOB.026.003 Utheni na ukumcebisa ongenabulumko, Ukumazisa kunene into eyiyo?
26:4b.JOB.026.004 Uxelele bani na ukuthetha? Kukuphefumla kukabani na okuphume kuwe?
26:5b.JOB.026.005 Abangasekhoyo bayazibhijabhija Ngaphantsi kwamanzi, nabemi bawo.
26:6b.JOB.026.006 Lize elabafileyo phambi kwakhe, Ayinasigubungelo inzonzobila.
26:7b.JOB.026.007 Ulaneka izulu langasentla enyanyeni, Axhome ihlabathi phezu kokungeni.
26:8b.JOB.026.008 Ubopha amanzi emafini akhe, Lingagqabhuki ilifu ngaphantsi kwawo.
26:9b.JOB.026.009 Uvingca umphambili wetrone, Aneke ilifu lakhe phezu kwayo.
26:10b.JOB.026.010 Uzunguleza ubuso bamanzi ngomda, Kuse ekupheleni kokukhanya nobumnyama.
26:11b.JOB.026.011 Iintsika zamazulu ziyanyenganyenga, Zingakhulumi kukukhalima kwakhe.
26:12b.JOB.026.012 Ngamandla akhe ugxobhagxobha ulwandle, Ngengqondo yakhe uqoba uRahabhi.
26:13b.JOB.026.013 Ngomoya wakhe wenza ukuba lise izulu; Isandla sakhe sayihlaba inyoka enyebelezayo.
26:14b.JOB.026.014 Yabona, ngamancam eendlela zakhe lawo; Iyini na ke intsebezo yelizwi esiyivayo ngaye? Ke yona indudumo yemisebenzi yobugorha bakhe ingaqondwa ngubani na?
27
27:1b.JOB.027.001 Wahambisa uYobhi, waphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,
27:2b.JOB.027.002 Ehleli nje uThixo, olisusileyo ibango lam, USomandla, owenze krakra umphefumlo wam
27:3b.JOB.027.003 (Kuba kusekum ukuphefumla kwam konke, Nomoya kaThixo usemathatheni am),
27:4b.JOB.027.004 Umlomo wam awuthethi bugqwetha, Nolwimi lwam aluxeli nkohliso.
27:5b.JOB.027.005 Makube lee kum ukuthi, niyalungisa; Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam.
27:6b.JOB.027.006 Ndobambelela ebulungiseni bam, andiyi kubuyeka; Intliziyo yam ayiyi kungcikiva mini eziminini zam.
27:7b.JOB.027.007 Malube njengongendawo utshaba lwam, Nosukela phezulu kum abe njengogqwethayo.
27:8b.JOB.027.008 Kuba liyintoni na ithemba lentshembenxa, xa athe wawunqumla, Xa athe wawurhola uThixo umphefumlo wayo?
27:9b.JOB.027.009 Wokuva na uThixo ukululahlamba kwayo, Xa ifikelwe yimbandezelo?
27:10b.JOB.027.010 Khona inokuziyolisa na ngoSomandla? Ingamnqula na uThixo ngamaxesha onke?
27:11b.JOB.027.011 Ndiya kuniyala ngokusingisele esandleni sikaThixo; OkunoSomandla andiyi kukukhanyela.
27:12b.JOB.027.012 Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile; Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto?
27:13b.JOB.027.013 Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo, Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelayo kuSomandla.
27:14b.JOB.027.014 Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele; Nabaphume embilinini wakhe abahluthi kukutya.
27:15b.JOB.027.015 Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa, Abahlolokazi bakhe bangalili.
27:16b.JOB.027.016 Ukuba uthe wafumba isilivere njengothuli, Wazilungisela izambatho njengodaka:
27:17b.JOB.027.017 Angazilungisa, koko ziya kwambathwa lilungisa, Nesilivere leyo babelane ngayo abamsulwa.
27:18b.JOB.027.018 Uyakha indlu yakhe njengenundu, Njengephempe elenziwe yimboniseli.
27:19b.JOB.027.019 Ulala phantsi esisityebi, akaphindi; Uvula amehlo akhe, angabikho.
27:20b.JOB.027.020 Kumthabatha njengamanzi ukukhwankqa, Simbe ebusuku isaqhwithi.
27:21b.JOB.027.021 Luyamfukula ulophu lwasempumalanga, emke, Lumqweqwedise endaweni yakhe.
27:22b.JOB.027.022 UThixo umgibisela angamcongi; Usibaleka asibaleke isandla sakhe.
27:23b.JOB.027.023 Bamtyhwakrazela izandla, Bamenzele umsondlo, emke endaweni yakhe.
28
28:1b.JOB.028.001 Kuba kukho apho iphuma khona isilivere, Nendawo yegolide abayihluzayo.
28:2b.JOB.028.002 Isinyithi sithatyathwa eluthulini, Banyibilikisa amatye abe lubhedu.
28:3b.JOB.028.003 Baphelisa ubumnyama, Bebhekisa eziphelweni zonke, Begocagocela amatye asesithokothokweni nawasebumnyameni obuthe shinyi.
28:4b.JOB.028.004 Bemba umngxuma kude kwabemiyo, Belityelwe lunyawo lwabahambi; Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga.
28:5b.JOB.028.005 Umhlaba-kuphuma ukutya kuwo; Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo.
28:6b.JOB.028.006 Indawo yesafire ngamatye awo, Amagada egolide akuyo;
28:7b.JOB.028.007 Yingqushu engaziwa xhalanga, Engathiwanga nzo liso lantloyiya,
28:8b.JOB.028.008 Enganyathelwanga thole lanyamakazi inyalasayo, Engahanjwanga nayingonyama.
28:9b.JOB.028.009 Usa isandla sakhe nakwiqhwitha, Uzibhukuqa ezingcanjini iintaba.
28:10b.JOB.028.010 Ugqobhoza imijelo emaweni; Libona zonke izinto ezinqabileyo iliso lakhe.
28:11b.JOB.028.011 Uvingca imilambo ingavuzi, Okufihlakeleyo akukhuphele emhlotsheni.
28:12b.JOB.028.012 Ke bona ubulumko bufunyanwa phi na? Iphi na indawo yengqondo?
28:13b.JOB.028.013 Akalazi umntu ixabiso labo; Abufunyanwa ezweni labahleliyo.
28:14b.JOB.028.014 Amanzi enzonzobila athi, Abukum; Ulwandle luthi, Abunam.
28:15b.JOB.028.015 Akurholwa golide ithe shinyi esikhundleni sabo; Akulinganiswa silivere ibe yintengo yabo.
28:16b.JOB.028.016 Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire, Nesardonisi enqabileyo, nesafire.
28:17b.JOB.028.017 Azinakulingana nabo igolide negilas; Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo.
28:18b.JOB.028.018 Zingasakhunjulwa iikorale neekristale, Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile.
28:19b.JOB.028.019 Ayinakulingana nabo itopazi yakwaKushi; Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo.
28:20b.JOB.028.020 Ubulumko buvela phi na ke, Yiyiphi na indawo yengqondo?
28:21b.JOB.028.021 Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo; Busithakele nasezintakeni zasezulwini.
28:22b.JOB.028.022 Inzonzobila nokufa kuthi, Sibuvile ukubuva ngendlebe.
28:23b.JOB.028.023 NguThixo oyiqondayo indlela yabo, Nguye oyaziyo indawo yabo.
28:24b.JOB.028.024 Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi, Ubona phantsi kwamazulu onke;
28:25b.JOB.028.025 Ngokuwenzela umoya ubunzima bawo, Namanzi awalinganise ngomlinganiso;
28:26b.JOB.028.026 Ekuyenzeleni kwakhe imvula ummiselo, Nombane wendudumo indlela:
28:27b.JOB.028.027 Waza wabubona, wabubala; Wabumisa, wabugocagoca nokubugocagoca;
28:28b.JOB.028.028 Wathi emntwini: Yabona, ukoyika iNkosi, bubulumko obo, Nokutyeka ebubini kuyingqondo.
29
29:1b.JOB.029.001 Wahambisa uYobhi ukuphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,
29:2b.JOB.029.002 Yoo! Andaba bendineenyanga ezinjengezaphambili, Njengemihla abendigcinile uThixo;
29:3b.JOB.029.003 Xa ukukhanya kwesibane sakhe bekuphezu kwentloko yam, Xa ngokukhanya kwakhe bendibuhamba ubumnyama;
29:4b.JOB.029.004 Njengoko bendinjalo ngemihla yam yokwindla, Oko ukucweya kukaThixo bekuphezu kwentente yam;
29:5b.JOB.029.005 Oko uSomandla ebesenam, Bengeenxa zonke kum abantwana bam;
29:6b.JOB.029.006 Oko ebehlanjwa amabanga am ngamasi, Iliwa lindithululela imijelo yeoli.
29:7b.JOB.029.007 Xa ekuphumeni ngesango bendinyuka ukuya kuwo umzi, Ndimise isihlalo sam endaweni yembutho,
29:8b.JOB.029.008 Andibona amadodana, azimela, Asuka amaxhego, ema.
29:9b.JOB.029.009 Abathetheli bakuyeka ukukhuluma, Babeka isandla emlonyeni.
29:10b.JOB.029.010 Ilizwi leenganga lazimela, Nolwimi lwazo lwanamathela ekhuhlangubeni azo,
29:11b.JOB.029.011 Kuba indlebe yeva, yathi ndinoyolo; Iliso labona, landingqinela.
29:12b.JOB.029.012 Kuba bendisiza iintsizana ezizibikayo, Neenkedama, noswele umncedi.
29:13b.JOB.029.013 Intsikelelo yabadakayo ibindizela, Nentliziyo yomhlolokazi bendiyimemelelisa.
29:14b.JOB.029.014 Ubulungisa bendibambatha bundambathe; Lwaba njengengubo yokwaleka nonkontsho ugwebo lwam.
29:15b.JOB.029.015 Bendingamehlo kwimfama, Bendiziinyawo kwisiqhwala;
29:16b.JOB.029.016 Bendinguyise kumahlwempu, Netyala lendingabaziyo bendiligocagoca.
29:17b.JOB.029.017 Bendiwaphula amabamba ogqwethayo, Bendilikhupha emazinyweni akhe ixhoba.
29:18b.JOB.029.018 Ndathi ke, Ndiya kuphuma umphefumlo kunye nendlu yam, Ndiyandise imihla yam njengentaka engafiyo.
29:19b.JOB.029.019 Ingcambu yam iya kuvulelwa amanzi, Ulale umbethe emasebeni am.
29:20b.JOB.029.020 Uzuko lwam luya kuhlala lulutsha kum, Sihlaziyeke isaphetha sam esandleni sam.
29:21b.JOB.029.021 Babendiphulaphula, balindele, Bathi tu ecebeni lam.
29:22b.JOB.029.022 Emva kwelizwi lam babengaphindi bathethe, Kubachaphazele ukukhuluma kwam.
29:23b.JOB.029.023 Babendilinda njengemvula, Imilomo yabo bayakhamisele eyasekwindla.
29:24b.JOB.029.024 Bendibancumela, bencamile; Ukukhanya kobuso bam bangakusanganisi.
29:25b.JOB.029.025 Bendibanyulela indlela, ndihlale ndiyintloko; Bendihlala njengokumkani phakathi komkhosi, Njengothuthuzela abenza isijwili.
30
30:1b.JOB.030.001 Kungoku bayandihleka abancinane kunam ngemihla, Abayise babo ndibe ndicekisa nokubabeka nezinja zomhlambi wam.
30:2b.JOB.030.002 Khona abengaba ngawantoni na kum amandla ezandla zabo, Abaphelelwe ngamandla?
30:3b.JOB.030.003 Bathe ngokuswela nokulamba banqina, Abo banqabi bomqwebedu, Bobumnyama bentshabalala yakwantshabalala;
30:4b.JOB.030.004 Abo baqhawula imbuwa ematyholweni, Abasonka siyingcambu yonwele.
30:5b.JOB.030.005 Bayagxothwa phakathi kwabantu; Bahlatyelwa umkhosi ngathi ngamasela;
30:6b.JOB.030.006 Bahlale ezihlanjeni ezingcangcazelisayo, Emingxunyeni yomhlaba nasemaweni.
30:7b.JOB.030.007 Babhomboloza phakathi kwamatyholo, Bafumbalala phantsi kwamarhawu,
30:8b.JOB.030.008 Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama, Ababethwa bemke ezweni.
30:9b.JOB.030.009 Kungoku ndiyingoma yabo. Ndaba kukukhuluma kwabo.
30:10b.JOB.030.010 Ndilisikizi kubo, bakude nam; Abawanqandi amathe ebusweni bam.
30:11b.JOB.030.011 Kuba ulucombulule uthambo lwam, wandicinezela, Bawuyeka umkhala phambi kwam.
30:12b.JOB.030.012 Ngasekunene kuphakama ubuvuvana; Batyhala iinyawo zam, Bandifumbele umendo wabo wokusindeka.
30:13b.JOB.030.013 Bayenza amagqagala indlela yam, Bancedisa ukweyela kwam, Abangenamncedi.
30:14b.JOB.030.014 Ukuza kwabo ngathi bagqobhoza ithuba elibanzi eludongeni, Bagaleleka kum nokuthi golokongqo kwalo.
30:15b.JOB.030.015 Kuguqukele kum ukukhwankqisa, Kubusukela ubunene bam njengomoya; Kudlule njengelifu ukusindiswa kwam.
30:16b.JOB.030.016 Kungoku uziphalazela phakathi kwam umphefumlo wam; Indibambile imihla yeentsizi.
30:17b.JOB.030.017 Ubusuku buphehla amathambo am, aqhiwuke kum; Iintlungu ezindidlayo azipheli.
30:18b.JOB.030.018 Ngobukhulu bamandla sizenze sasisimbi isambatho sam, Sithe nca kum njengomqala wengubo yam yangaphantsi.
30:19b.JOB.030.019 Undijulele eludakeni, Ndafana nothuli nothuthu.
30:20b.JOB.030.020 Ndiyazibika kuwe, ungasabeli; Ndisuka ndime, undijonge.
30:21b.JOB.030.021 Uzenza isijorha kum; Unditshutshisa ngamandla esandla sakho.
30:22b.JOB.030.022 Undifukulela emoyeni, undikhwelisa kuwo, Undibhangise nokuzongoma kwawo.
30:23b.JOB.030.023 Kuba ndiyazi ukuba uya kundibuyisela ekufeni, Endlwini yokuhlangana kwabaphilileyo bonke.
30:24b.JOB.030.024 Kodwa ekuthini bhuma, umntu akoluli sandla na, Azibike ngenxa yoko elishweni lakhe?
30:25b.JOB.030.025 Khona andimlilelanga yini na omini zinobubi? Ubungenalusizi na umphefumlo wam ngenxa yehlwempu?
30:26b.JOB.030.026 Kuba ndathemba okulungileyo, kweza okubi; Ndalinda ukukhanya, kweza isithokothoko.
30:27b.JOB.030.027 Amathumbu am abila, akayeka; Yandihlangabeza imihla yeentsizi.
30:28b.JOB.030.028 Ndahamba ndinezimnyama zokuzila, akwabakho langa; Ndaphakama ebandleni, ndazibika.
30:29b.JOB.030.029 Ndingumzalwana weempungutye, Nomlingane weenciniba.
30:30b.JOB.030.030 Ulusu lwam luyadlubhuka kum, lumnyama. Namathambo am atshile kukoma.
30:31b.JOB.030.031 Uhadi lwam lwaba sisijwili, Ugwali lwam lwaba lilizwi labalilayo.
31
31:1b.JOB.031.001 Ndiwamisele amehlo am umnqophiso; Ndingathini na ukuqwalasela entombini?
31:2b.JOB.031.002 Besiya kuba yini na isahlulelo sikaThixo esivela phezulu, Nelifa loSomandla elivela ezindaweni eziphakamileyo?
31:3b.JOB.031.003 Ukusindeka asikokogqwethayo yini na, Neshwangusha asilelabenzi bobutshinga yini na?
31:4b.JOB.031.004 Akaziboni na yena iindlela zam, Awabale onke amabanga am?
31:5b.JOB.031.005 Ukuba ndibe ndihamba nokhohlakeleyo, Lwangxamela inkohliso unyawo lwam,
31:6b.JOB.031.006 Makandilinganise esikalini sobulungisa, Akwazi uThixo ukugqibelela kwam.
31:7b.JOB.031.007 Ukuba ebethe gu bucala amabanga am endleleni, Yalandela amehlo am intliziyo yam, Sanamathela isisihla ezandleni zam:
31:8b.JOB.031.008 Mandihlwayele, kudle omnye, Iingcambu zabaphume kum zincothulwe.
31:9b.JOB.031.009 Ukuba ibihendekile intliziyo yam ngenxa yomkamntu, Ndalalela esangweni lommelwane wam,
31:10b.JOB.031.010 Umkam makasilele omnye umntu, Kuguqe abanye phezu kwakhe.
31:11b.JOB.031.011 Kuba loo nto bubugqwirha, Loo nto bubugwenxa phambi kwabagwebi.
31:12b.JOB.031.012 Inene, loo nto ngumlilo odla use enzonzobileni; Ibiya kuncothula iingcambu zongeniselo lwam lonke.
31:13b.JOB.031.013 Ukuba ndibe ndilahle ilungelo lomkhonzi wam nelomkhonzazana wam, Bakubambana nam,
31:14b.JOB.031.014 Bendingathini na ukwenza, xa athe uThixo wesuka waphakama? Xa athe wavela, bendingathini na ukuphendula?
31:15b.JOB.031.015 Owandenzayo ezibilinini akamenzanga na naye? Owasimilisa esizalweni akamnye na?
31:16b.JOB.031.016 Ukuba ndibe ndisala nabakungxameleyo abasweleyo, Ndawaphelisa amehlo omhlolokazi,
31:17b.JOB.031.017 Ndawudla ndedwa umthamo wam, Ayadla inkedama kuwo:
31:18b.JOB.031.018 Hayi bo! Kwasebuncinaneni bam inkedama yakhulela kum, ngathi ikuyise, Ndamalathisa umhlolokazi nasesizalweni sikama.
31:19b.JOB.031.019 Ukuba ndibe ndimbona otshabalalayo engenanto yokwambatha, Ihlwempu lingenanto yokuzigubungela;
31:20b.JOB.031.020 Ukuba abengandisikeleli amanqe akhe, Akazifudumeza ngoboya beemvana zam;
31:21b.JOB.031.021 Ukuba bendilingisile ngesandla sam kwinkedama, Ngokuba bendibone uncedo lwam esangweni:
31:22b.JOB.031.022 Igxalaba lam maliwe esixhantini salo, Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.
31:23b.JOB.031.023 Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo, Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.
31:24b.JOB.031.024 Ukuba bendenze igolide inqolonci yam, Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;
31:25b.JOB.031.025 Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam, Nokufumana kakhulu kwesandla sam;
31:26b.JOB.031.026 Ukuba bendilibona ilanga likhupha imitha, Nenyanga ihamba indilekile,
31:27b.JOB.031.027 Yahendeka ngasese intliziyo yam, Ndasangela ngomlomo wam isandla sam:
31:28b.JOB.031.028 Nako oko ngekuba bubugwenxa phambi kwabagwebi; Kuba ngendiba ndimkhanyele uThixo waphezulu.
31:29b.JOB.031.029 Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo, Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi
31:30b.JOB.031.030 (Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone, Ndiwucele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);
31:31b.JOB.031.031 Ukuba babengatsho abantu bentente yam, ukuthi, Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?
31:32b.JOB.031.032 Ubengalali phandle umphambukeli, Iingcango zam bendizivulela endleleni;
31:33b.JOB.031.033 Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam, Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,
31:34b.JOB.031.034 Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi, Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane, Ndathi cwaka, andaphuma emnyango
31:35b.JOB.031.035 Andaba bendinondiphulaphulayo! Nangu umqondiso wam, uSomandla makandiphendule; Nantsi incwadi ayibhalileyo obambene nam.
31:36b.JOB.031.036 Inene, ndoyithwala ngesixhanti nam, Ndoyithi jize kum njengesithsaba.
31:37b.JOB.031.037 Inani lamabanga am ndomxelela, Ndimsondele njengenganga.
31:38b.JOB.031.038 Ukuba umhlaba wam ubukhala ndim, Nemiqela yawo yalila kunye nawo;
31:39b.JOB.031.039 Ukuba bendiwadla amandla awo kungekho mali, Ndabanga ukuba uphume umphefumlo womniniwo:
31:40b.JOB.031.040 Makuphume amakhakakhaka esikhundleni sengqolowa, Nokhula esikhundleni serhasi. Agqityiwe amazwi kaYobhi.
32
32:1b.JOB.032.001 Ayeka loo madoda omathathu ukumphendula uYobhi; kuba ubelilungisa emehlweni akhe.
32:2b.JOB.032.002 Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo.
32:3b.JOB.032.003 Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile uYobhi.
32:4b.JOB.032.004 Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla.
32:5b.JOB.032.005 Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe.
32:6b.JOB.032.006 Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi, Ndimncinane mna ngemihla, Ke nina niziingwevu; Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam.
32:7b.JOB.032.007 Ndathi, Imihla mayithethe, Iminyaka emininzi yazise ubulumko.
32:8b.JOB.032.008 Noko ngumoya osemntwini, Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo.
32:9b.JOB.032.009 Ukulumka akunabakhulu, Ukuqonda okufaneleyo akunamadoda makhulu odwa.
32:10b.JOB.032.010 Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam.
32:11b.JOB.032.011 Yabonani, bendiwalindile amazwi enu, Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu, Nada nagocagoca ukuthetha.
32:12b.JOB.032.012 Ndanigqala kakuhle; Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi, Wawaphendula amazwi akhe.
32:13b.JOB.032.013 Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko; UThixo uyamphephetha, asingumntu.
32:14b.JOB.032.014 Ke akakubhekisanga kum ukuthetha; Andiyi kumphendula ngamazwi enu.
32:15b.JOB.032.015 Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli; Baphelelwe kukuthetha.
32:16b.JOB.032.016 Khe ndenze kuhle na, ngokuba bengathethi, Ngokuba bemi bengasaphenduli?
32:17b.JOB.032.017 Ndiya kuphendula nam okwam, Ndixele ukwazi kwam nam.
32:18b.JOB.032.018 Kuba ndizele kukuthetha; Undicuthile umoya wembilini yam.
32:19b.JOB.032.019 Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga; Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka.
32:20b.JOB.032.020 Ndiya kuthetha, ukuze ndiphefumle; Ndiya kuwuvula umlomo wam, ndiphendule.
32:21b.JOB.032.021 Mandingakhe ndinonelele mntu; Ndingakhe nditeketise mntu.
32:22b.JOB.032.022 Kuba andikwazi ukuteketisa; Ubeya kundisusa kalula uMenzi wam.
33
33:1b.JOB.033.001 Kodwa khawukuve, Yobhi, ukuthetha kwam, Uwabekele indlebe amazwi am onke.
33:2b.JOB.033.002 Khawubone, ndiwuvulile umlomo wam, Luyathetha ulwimi lwam ekhuhlangubeni lam.
33:3b.JOB.033.003 Akukuthi tye kwentliziyo yam amazwi am; Ukwazi komlomo wam akuthetha kanyulu.
33:4b.JOB.033.004 UMoya kaThixo wandenza, Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.
33:5b.JOB.033.005 Ukuba unako, ndiphendule; Yakha uluhlu amazwi phambi kwam; misa.
33:6b.JOB.033.006 Uyabona, njengawe ndingokaThixo; Ndacatshulwa eludongweni nam.
33:7b.JOB.033.007 Yabona, ukothusa kwam akuyi kukudandathekisa; Nokushicilela kwam akuyi kuba nzima phezu kwakho.
33:8b.JOB.033.008 Okunene, uthethe ezindlebeni zam, Ndaliva ilizwi lokukhuluma, lisithi,
33:9b.JOB.033.009 Ndiqaqambile, andinalukreqo; Ndiguxiwe, andinabugwenxa.
33:10b.JOB.033.010 Yabona, ufuna izizekabani zokuthibana nam, Uthi ndilutshaba lwakhe.
33:11b.JOB.033.011 Uzifaka iinyawo zam esitokisini, Uwulinga wonke umendo wam.
33:12b.JOB.033.012 Yabona akulungisi ngaloo nto; ndokuphendula; Kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.
33:13b.JOB.033.013 Yini na ukuba ubambane naye, Kuba engaphenduli ngeendawo zakhe zonke?
33:14b.JOB.033.014 Kanti, hayi, ngendlela enye uThixo uyathetha, Nangezimbini, ke akukhathalwa.
33:15b.JOB.033.015 Ephupheni, embonweni wasebusuku, Bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu, Ekozeleni elukhukweni;
33:16b.JOB.033.016 Uzityhila oko iindlebe zabantu, Akutywine akuvingce ukuthethiswa kwabo,
33:17b.JOB.033.017 Ukuze amthinte umntu ekwenzeni into, Agubungele uqhankqalazo lomfo;
33:18b.JOB.033.018 Awunqande umphefumlo wakhe esihogweni, Nobomi bakhe bungagqitheli emkhontweni.
33:19b.JOB.033.019 Wohlwaywa umntu ngumvandedwa esililini sakhe, Nayimfazwe esimakade emathanjeni akhe;
33:20b.JOB.033.020 Ubomi bakhe bukwale ukudla, Nomphefumlo wakhe wale ukudla okunqwenelekayo.
33:21b.JOB.033.021 Iyadleka inyama yakhe, ingabonakali, Avele amathambo akhe abengabonakali.
33:22b.JOB.033.022 Uyasondela ke esihogweni umphefumlo wakhe, Nobomi bakhe kubabulali.
33:23b.JOB.033.023 Ukuba ke kuthe kwakho isithunywa sezulu Esimlamlelayo, noko sisinye ewakeni, Sokumxelela umntu okumfaneleyo:
33:24b.JOB.033.024 Wombabala, athi, Mkhulule, angehli aye esihogweni, Kuba ndilufumene ucamagusho.
33:25b.JOB.033.025 Isuka ibe nentlahla inyama yakhe; Ubuyela emihleni yobudodana bakhe;
33:26b.JOB.033.026 Uthandaza kuThixo, akholiswe yena nguye; Abubone ubuso bakhe eduma; Yena ambuyekeze ke umntu ubulungisa bakhe.
33:27b.JOB.033.027 Lo uvuma ebantwini, athi, Bendonile, ndakugwenxa okuthe tye, Akwalinganiselwa kum njengoko noko.
33:28b.JOB.033.028 Uwukhulule umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni, Nobomi bam bokubona ukukhanya.
33:29b.JOB.033.029 Yabona, oko konke uyakwenza uThixo Izihlando ezibini nezithathu kumfo,
33:30b.JOB.033.030 Ukuba abuyise umphefumlo wakhe esihogweni, Ukhanye ngokukhanya kobomi.
33:31b.JOB.033.031 Baza indlebe, Yobhi, phulaphula kum; Yithi tu, ndithethe mna.
33:32b.JOB.033.032 Ke ukuba unokuthetha, ndiphendule; Thetha, kuba ndifuna ukukugwebela.
33:33b.JOB.033.033 Ukuba akukho, phulaphula kum wena; Yithi tu, ndikufundise ubulumko.
34
34:1b.JOB.034.001 Wasusela uElihu, wathi,
34:2b.JOB.034.002 Yivani, nina zilumko, ukuthetha kwam; Nina zazi, ndibekeleni indlebe.
34:3b.JOB.034.003 Ngokuba indlebe iyakucikida ukuthetha, Ikhuhlangubo liyakuva ukudla.
34:4b.JOB.034.004 Masizinyulele okusesikweni, Sikwazi phakathi kwethu okulungileyo.
34:5b.JOB.034.005 Ngokuba uthe uYobhi, Ndililungisa, UThixo ulisusile ibango lam.
34:6b.JOB.034.006 Kuthiwa ndiyaxoka, noko likhoyo ibango lam; Liyabulala inxeba lam lotolo, noko ndingenalukreqo.
34:7b.JOB.034.007 Uphi na umfo onjengoYobhi, Yena ukuselayo ukugcula njengamanzi?
34:8b.JOB.034.008 Athelele kubenzi bobutshinga, Ahambe namadoda angendawo?
34:9b.JOB.034.009 Kuba esithi, Akancedeki umfo Ngokukholana noThixo.
34:10b.JOB.034.010 Ngako oko, nina madoda okuqonda, phulaphulani kum; Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo; KuSomandla, ukuba abe nobugqwetha,
34:11b.JOB.034.011 Ke ukwenza komntu ukubuyekeza kuye, Amfumanise umfo ngokwehambo yakhe.
34:12b.JOB.034.012 Hayi bo! UThixo akenzi ngokungendawo, USomandla akakugwenxi okusesikweni.
34:13b.JOB.034.013 Ngubani na omphathise ihlabathi? Ngubani na omise elimiweyo lonke?
34:14b.JOB.034.014 Ukuba ubebhekise kuye ngokwakhe yedwa, Wawuhlanganisela kuye umoya wakhe, nokuphefumla kwakhe,
34:15b.JOB.034.015 Ibiya kuphuma umphefumlo inyama yonke kunye, Umntu abuyele eluthulini.
34:16b.JOB.034.016 Wanga ungakuqonda, ungakuva oku, Ulibekele indlebe izwi lokuthetha kwam!
34:17b.JOB.034.017 Kanene, othiye okusesikweni ubengaphatha ngobukhosi, yini na? Khona uSobulungisa womgweba na?
34:18b.JOB.034.018 Kungathiwa na kukumkani, Tshijolondini? Nakumanene, Zintondini zingendawo?
34:19b.JOB.034.019 Kangakanani na ke kongabanoneleliyo abathetheli, Onganoneleli zinongonongo ngaphezu kwabasweleyo? Kuba bangumsebenzi wezandla zakhe bona bonke.
34:20b.JOB.034.020 Bafa ngephanyazo, phakathi kobusuku; Bayahexiswa abantu, badlule, Zisuswe iimbalasane kungengasandla.
34:21b.JOB.034.021 Kuba amehlo akhe aphezu kweendlela zomntu, Uyawabona onke amabanga akhe.
34:22b.JOB.034.022 Akukho bumnyama, akukho thunzi lakufa, Ukuba basithele kulo abenzi bobutshinga.
34:23b.JOB.034.023 Ngokuba akazekeleli ukumngqinga umntu, Ukuze eze ematyaleni noThixo.
34:24b.JOB.034.024 Uyabashwaqa abaziinyathi engagocagocanga, Amise ke abanye esikhundleni sabo.
34:25b.JOB.034.025 Ngako oko uyazazi izenzo zabo, Ababhukuqe ebusuku, batyumke.
34:26b.JOB.034.026 Uyabamonxoza ngokwabangendawo Endaweni yababoneli.
34:27b.JOB.034.027 Ekungenxa yokuze kubekho oko, le nto batyekayo ekumlandeleni, Abaziqiqa zonke iindlela zakhe;
34:28b.JOB.034.028 Ukuze bakufikise kuye ukukhala kosweleyo, Akuve ukukhala kweentsizana.
34:29b.JOB.034.029 Akuzolisa, ngubani na oya kuxhalisa? Akusithelisa ubuso, ngubani na ongambonayo? Esenjenjalo, nokuba kungenxa yohlanga, nokuba kungenxa yomntu emnye,
34:30b.JOB.034.030 Ukuze angabi ngukumkani umntu oyintshembenxa, Angabi zizirhintyelo zabantu.
34:31b.JOB.034.031 Ngokuba ubani angatsho na kuThixo ukuthi, Ndiziphakamisile, andisayi kuba sona;
34:32b.JOB.034.032 Endingakuboniyo, ndiyale ngako; Ukuba ndithe ndenza ngobugqwetha, andiyi kuphinda?
34:33b.JOB.034.033 Uya kuphindezela ngokwakho na yena, ngokuba usolile wena? Ukuba unyule wena, kunganyuli mna. Into oyaziyo yithethe.
34:34b.JOB.034.034 Aya kuthi kum amadoda aziingqondi, Nomfo osisilumko ondiphulaphulayo,
34:35b.JOB.034.035 UYobhi uthetha engenakwazi, Namazwi akhe akanangqiqo.
34:36b.JOB.034.036 Tarhuni, makacikidwe uTobhi kuse ekupheleni, Ngenxa yokuphendula kwakhe ngokwamadoda anobutshinga.
34:37b.JOB.034.037 Kuba elongeza ukreqo kwisono sakhe; Utyhwakraza izandla phakathi kwethu, Awenze maninzi amazwi akhe ngoThixo.
35
35:1b.JOB.035.001 Wasusela uElihu, wathi,
35:2b.JOB.035.002 Uba oku kusesikweni na, Ukuthi, ubulungisa bakho bungaphezu kobukaThixo;
35:3b.JOB.035.003 Ukuba uthi nje, Bundinceda ntoni na, Bundinyusa ngantoni na phezu kokundinyusa kwesono sam?
35:4b.JOB.035.004 Ndiya kukuphendula mna ngokuthetha, Nabahlobo bakho abanawe.
35:5b.JOB.035.005 Bheka ezulwini ubone; Ukhangele isibhakabhaka, siphezulu kuwe.
35:6b.JOB.035.006 Ukuba uthi wone, usebenza ntoni na ngakuye? Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenze ntoni na?
35:7b.JOB.035.007 Ukuba uthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto? Wamkela ntoni na yena esandleni sakho?
35:8b.JOB.035.008 Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho; Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho.
35:9b.JOB.035.009 Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu; Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu.
35:10b.JOB.035.010 Ke abatsho ukuthi, Uphi na uThixo uMenzi wam, Osinika ingoma ebusuku,
35:11b.JOB.035.011 Osifundisa ngaphezu kweenkomo zehlabathi, Asiphe ubulumko ngaphezu kweentaka zezulu?
35:12b.JOB.035.012 Bandula bakhale, angaphenduli, Ngenxa yekratshi labanobubi.
35:13b.JOB.035.013 Hayi, yona into ekhohlakeleyo akayiva uThixo, USomandla akayikhathalele.
35:14b.JOB.035.014 Noko utshoyo ukuthi akumkhathalele, Ityala liphambi kwakhe, lindela kuye ke!
35:15b.JOB.035.015 Ke ngoko xa ungekaveleli umsindo wakhe, Akazani na kunene nesikhukhumali?
35:16b.JOB.035.016 Ke uYobhi ufumana awuvule umlomo wakhe, Akwandise ukuthetha engenakwazi.
36
36:1b.JOB.036.001 Waqokela uElihu, wathi,
36:2b.JOB.036.002 Khawenze kuhle, ndikutyele; Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo.
36:3b.JOB.036.003 Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam, Ndimnike ubulungisa uMenzi wam.
36:4b.JOB.036.004 Okwenene, akubuxoki ukuthetha kwam; Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho.
36:5b.JOB.036.005 Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani; Unamandla ngokuqina kwengqondo.
36:6b.JOB.036.006 Akamlondolozeli ebomini ongendawo; Iintsizana uzinika ibango lazo.
36:7b.JOB.036.007 Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa; Ubahlalisa kunye nookumkani etroneni Ngonaphakade, baphakame ke.
36:8b.JOB.036.008 Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane, Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,
36:9b.JOB.036.009 Ubaxelela izenzo zabo Nezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.
36:10b.JOB.036.010 Uzityhilela intethiso iindlebe zabo; Uthi mababuye ebutshingeni.
36:11b.JOB.036.011 Ukuba bathe beva, bamkhonza, Boyigqiba imihla yabo ekulungeni, Neminyaka yabo ebumnandini.
36:12b.JOB.036.012 Ukuba bathe abeva, bogqithela emkhontweni, Baphume umphefumlo bengenakwazi.
36:13b.JOB.036.013 Ke abaziintshembenxa ngentliziyo babamba umsindo; Abazibiki xa abakhonkxayo;
36:14b.JOB.036.014 Ufe ke ebuncinaneni umphefumlo wabo, Nobomi babo bube bobengawu kwindawo engcwele.
36:15b.JOB.036.015 Uyamhlangula olusizana ngeentsizi zakhe, Ayityhile indlebe yakhe ngokuxinwa kwabo.
36:16b.JOB.036.016 Nawe ubengakukhululayo yena emlonyeni wembandezelo, Akuse endaweni ebanzi, emzantsi ungacuthekileyo; Nokubekwa etafileni yakho kuzale kukutyeba.
36:17b.JOB.036.017 Ke wena uzele kukugweba kwabangendawo; Ukugweba nokugwetywa kunako ukukubamba.
36:18b.JOB.036.018 Kuba ubushushu mabungakuxhokonxeli ekutyhwakrazeni izandla, Nobukhulu bocamagusho mabungathi gu bucala.
36:19b.JOB.036.019 Ukuzibika kwakho kokubeka ngaphandle kwembandezelo na, Nemigushanxa yonke yamandla?
36:20b.JOB.036.020 Musa ukuzonda ubusuku Bokususa izizwe esikhundleni sazo.
36:21b.JOB.036.021 Lumka, ungaguqukeli konobutshinga; Kuba unyule loo nto kuneentsizi.
36:22b.JOB.036.022 Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe; Ngubani na umyali onjengaye?
36:23b.JOB.036.023 Ngubani na omphathise indlela yakhe; Ngubani na ongathi, Wenze ngobugqwetha?
36:24b.JOB.036.024 Khumbula ukuba uwukhulise ngendumiso umsebenzi wakhe, Awuhlabele ingoma amadoda.
36:25b.JOB.036.025 Bonke abantu bayawubona; Umntu uwukhangela emgama.
36:26b.JOB.036.026 Yabona, uThixo mkhulu, asimazi; Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.
36:27b.JOB.036.027 Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi, Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,
36:28b.JOB.036.028 Esiyinisayo isibhakabhaka, Ivuze phezu kwabantu abaninzi.
36:29b.JOB.036.029 Kanene baya kuqonda na ukwanekwa kwamafu, Nokuzongoma komnquba wakhe?
36:30b.JOB.036.030 Yabona, waneka phezu kwakhe ukukhanya kwakhe, Azigubungele ngamazantsi olwandle.
36:31b.JOB.036.031 Kuba ngezo nto ugqweba izizwe, Unika ukudla ngento eninzi.
36:32b.JOB.036.032 Izandla zozibini uzigubungela ngombane, Awuwisele umthetho ngokochanayo.
36:33b.JOB.036.033 Ukugquma kwakhe kuyamxela, Kwaneenkomo, ukuba uza kunyuka.
37
37:1b.JOB.037.001 Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam, Ixhume endaweni yayo.
37:2b.JOB.037.002 Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe, Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.
37:3b.JOB.037.003 Ukusingisa ngaphantsi kwezulu lonke, Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.
37:4b.JOB.037.004 Emva kwawo kubhonga ilizwi; Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe; Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.
37:5b.JOB.037.005 UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo, Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.
37:6b.JOB.037.006 Kuba uthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni; Nakwisiphango semvula, Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.
37:7b.JOB.037.007 Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele, Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.
37:8b.JOB.037.008 Amarhamncwa angena emlaleleni, Ahlale ezikhundleni zawo.
37:9b.JOB.037.009 Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi; Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.
37:10b.JOB.037.010 Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce, Ububanzi bamanzi bucutheke.
37:11b.JOB.037.011 Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi; Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.
37:12b.JOB.037.012 Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye, Ukuze enze konke awawamisela khona Ebusweni behlabathi elimiweyo;
37:13b.JOB.037.013 Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe, Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.
37:14b.JOB.037.014 Oko kubekele indlebe, Yobhi; Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.
37:15b.JOB.037.015 Uyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe, Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?
37:16b.JOB.037.016 Uyazi na ukulinganiselwa kwamafu, Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?
37:17b.JOB.037.017 Wena ungubo zifudumeleyo, Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;
37:18b.JOB.037.018 Usikhanda usolule naye na isibhakabhaka, Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?
37:19b.JOB.037.019 Sazise esingakuthethayo thina kuye; Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.
37:20b.JOB.037.020 Wobikelwa na ukuthi ndiyathetha? Umntu uthi makaginywe na?
37:21b.JOB.037.021 Ke ngoku akubonwa kukhanya Kukhazimlayo, kusesibhakabhakeni; Kudlula umoya, lise.
37:22b.JOB.037.022 Entla kuziwa negolide; Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.
37:23b.JOB.037.023 USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla; Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.
37:24b.JOB.037.024 Ngako oko bayamoyika abantu; Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.
38
38:1b.JOB.038.001 Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,
38:2b.JOB.038.002 Ngubani na lo usitha icebo Ngokuthetha okungenakwazi?
38:3b.JOB.038.003 Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho, Ndikubuze, undazise.
38:4b.JOB.038.004 Ubuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi? Xela, ukuba uyazi, uyaqonda.
38:5b.JOB.038.005 Ngubani na omise imilinganiso yalo, ukuba uyazi? Ngubani na ololulele ulutya lokulinganisa?
38:6b.JOB.038.006 Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo? Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo,
38:7b.JOB.038.007 Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa, Beduma bonke oonyana bakaThixo?
38:8b.JOB.038.008 Ngubani na owaluvingcelayo ulwandle ngeengcango Ekutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni;
38:9b.JOB.038.009 Ekulwambathiseni kwam ngamafu, Ekulusongeleni ngesithokothoko;
38:10b.JOB.038.010 Ndakulusikelela umda wam, Ndakumisa imivalo neengcango;
38:11b.JOB.038.011 Ndathi, Fika apha, ungegqithi; Eme apha amaza akho akratshayo?
38:12b.JOB.038.012 Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa, Wasazisa isifingo indawo yaso;
38:13b.JOB.038.013 Ukuba sibambe amasondo ehlabathi, Bavuthululwe kulo abangendawo?
38:14b.JOB.038.014 Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina, Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;
38:15b.JOB.038.015 Abangendawo bavinjwe ukukhanya kwabo, Nengalo ephakamileyo yaphulwe.
38:16b.JOB.038.016 Uye wafika na emithonjeni yolwandle? Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?
38:17b.JOB.038.017 Uwatyhilelwe na amasango okufa? Namasango ethunzi lokufa wawabona?
38:18b.JOB.038.018 Ubugqalile na ububanzi behlabathi? Xela, ukuba uyakwazi oko konke.
38:19b.JOB.038.019 Iphi na indlela esa ekhayeni lokukhanya, Nobumnyama iphi na indawo yabo,
38:20b.JOB.038.020 Ukuba ubuse emdeni wabo, Ukuba uqonde iindlela zendlu yabo?
38:21b.JOB.038.021 Uyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe oko Lilikhulu nenani lemihla yakho!
38:22b.JOB.038.022 Ufikelele na ebuncwaneni bekhephu? Ubuncwane besichotho wabubona,
38:23b.JOB.038.023 Endabuqwebela ixesha lembandezelo, Imini yokudibana nemfazwe?
38:24b.JOB.038.024 Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya? Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?
38:25b.JOB.038.025 Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;
38:26b.JOB.038.026 Ukuba ine ezweni elingenamntu, Entlango, apho kungekho mntu;
38:27b.JOB.038.027 Ihluthise intshabalala yakwantshabalala, Intshulise uhlaza oluphumayo?
38:28b.JOB.038.028 Inoyise na imvula? Ngubani na ozala amathontsi ombethe?
38:29b.JOB.038.029 Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na? Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?
38:30b.JOB.038.030 Amanzi ayaqina njengelitye, Nobuso bamanzi anzongonzongo bubambene.
38:31b.JOB.038.031 Unokuwabopha na amaqhina esiLimela, Uzicombulule izintya zamaKroza?
38:32b.JOB.038.032 Unokuyivelisa na imilindo yeenyanga ngexesha layo, Uzalathise iinkwenkwezi zeBhere nabantwana bayo?
38:33b.JOB.038.033 Uyayazi na imimiselo yezulu? Umise ulawulo lwalo ehlabathini?
38:34b.JOB.038.034 Unokuliphakamisela emafini na izwi lakho, Ukuze ubuninzi bamanzi bukugubungele?
38:35b.JOB.038.035 Unokuyithuma na imibane, ihambe ithi kuwe, Sikho?
38:36b.JOB.038.036 Ngubani na omise ubulumko ezintsweni? Ngubani na onike imboniseli ingqondo?
38:37b.JOB.038.037 Ngubani na obala iingqimba zamafu ngobulumko? Ngubani na othulula iintsuba zezulu.
38:38b.JOB.038.038 Emelelweni wothuli, lube lutyhido, Amagada anamathelane?
38:39b.JOB.038.039 Ingonyamakazi unokuyizingelela inyamakazi na, Uzalise iphango leengonyama ezintsha,
38:40b.JOB.038.040 Xa zincathamayo ezikhundleni zazo, Zihlale ezindadeni, zilalele?
38:41b.JOB.038.041 Ngubani na olungisela ihlungulu umfunzelo walo, Xa amathole alo azibika kuThixo, Ebhadu-bhadula, engenakudla?
39
39:1b.JOB.039.001 Uyalazi na ixesha lokuzala kwamagogo asemaweni, Ugqale ukuzuza kwamaxhamakazi?
39:2b.JOB.039.002 Uyazibala na iinyanga azizalisayo, Ulazi na ixesha lokuzala kwawo?
39:3b.JOB.039.003 Uyaguqa, azale, Akhuphe inkonyana.
39:4b.JOB.039.004 Ayomelela amankonyana awo, akhula emathafeni, Aphuma, angabi sabuya.
39:5b.JOB.039.005 Ngubani na olindululeyo iesile lasendle likhululekile? Iimbophelelo ze-esile elindwebileyo, ngubani na ozithukululeyo,
39:6b.JOB.039.006 Endilimisele inkqantosi ukuba ibe yindlu yalo, Neendawo ezinetyuwa zibe likhaya lalo?
39:7b.JOB.039.007 Liyayihleka ingxokolo yomzi, Aliyiva ingxolo yomqhubi.
39:8b.JOB.039.008 Umfuno weentaba bubutyani balo, Lilanda lonke uhlaza.
39:9b.JOB.039.009 Yovuma na inqu ukukukhonza, Ilale esitalini sakho?
39:10b.JOB.039.010 Unokuyibopha na inqu emqeleni ngomqokozo wayo, Iqwakanise iintili ikulandela?
39:11b.JOB.039.011 Wokholosa na ngayo, ngokuba emakhulu amandla ayo, Ukushiye nayo ukuxelenga kwakho?
39:12b.JOB.039.012 Unokukholwa na kuyo, ukuba yoyigodusa imbewu yakho, Ibuthele esandeni sakho?
39:13b.JOB.039.013 Iphiko lencinibakazi liyaphapha: Lunenceba yengwamza na ke usiba lwayo, noboya bayo?
39:14b.JOB.039.014 Hayi bo! Iwashiya emhlabeni amaqanda ayo, Ifukamele eluthulini;
39:15b.JOB.039.015 Ilibale ukuba unyawo lowatyumza, Nerhamncwa lasendle lowanyathela.
39:16b.JOB.039.016 Iyawabukula amathole ayo ngathi asingawayo, Kuphalale ukuxelenga kwayo, ingaxhali.
39:17b.JOB.039.017 Ngokuba uThixo wenze yabulibala ubulumko, Akayabela ingqondo.
39:18b.JOB.039.018 Xesha limbi izibetha iphakame, Ilihleke ihashe nomkhweli walo.
39:19b.JOB.039.019 Linikwa nguwe na ihashe ubukroti? Uyambathise intamo yalo ngobuyakayaka?
39:20b.JOB.039.020 Nguwe na oliqakathisa njengenkumbi? Isandi somfutho walo siyothusa.
39:21b.JOB.039.021 Liyagquba entilini ngamanqina, lenze amagqasi ngamandla; Liphuma likhawulele umkhosi onesikrweqe.
39:22b.JOB.039.022 Liyakuhleka ukunkwantya; aliqhiphuki mbilini; Alijiki phambi kwekrele.
39:23b.JOB.039.023 Urhashaza phezu kwalo umphongolo, Nentshuntshe ebengezelayo, nenkcula.
39:24b.JOB.039.024 Ngentshakavu nangengcwangu liginya ilizwe; Alimi kwakuvuthelwa isigodlo.
39:25b.JOB.039.025 Okuvuthela sivuthelwayo isigodlo, lisuka ngathi lithi, Ngxatsho ke! Lisezela imfazwe kwakude, Nokududuma kwabathetheli, nokufunza.
39:26b.JOB.039.026 Intambanane iphaphazela ngengqondo yakho na, Yolule amaphiko ayo, ibheke ezantsi?
39:27b.JOB.039.027 Kungomthetho wakho na, ukuba ixhalanga linyuke, Liyiphakamise indlu yalo,
39:28b.JOB.039.028 Lihlale engxondorheni, lilale Etsolweni lengxondorha, nasemboniselweni?
39:29b.JOB.039.029 Lilapho lihlola ukudla; Amehlo alo ondele kude.
39:30b.JOB.039.030 Amathole alo afunxa igazi; Nalapho bakhona abangxwelerhiweyo, likhona nalo.
40
40:1b.JOB.040.001 UYehova wamphendula uYobhi, wathi,
40:2b.JOB.040.002 Wobambana noSomandla na ke umthethiswa? Umohlwayi kaThixo makakuphendule oko.
40:3b.JOB.040.003 UYobhi wamphendula uYehova, wathi,
40:4b.JOB.040.004 Yabona, ndiphantsi. Ndothini na ukuphendula? Ndibeka isandla sam emlonyeni wam.
40:5b.JOB.040.005 Ndithethile kwakanye, andiyi kuphinda ndiphendule; Ndithethile kwakabini, andiyi kuphinda ndibuye ndiqhube.
40:6b.JOB.040.006 UYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,
40:7b.JOB.040.007 Khawuzibhinqise amanqe akho njengomfo; Ndiya kukubuza, undazise.
40:8b.JOB.040.008 Kanene uya kwaphula nogwebo lwam na, Undigwebe, ukuze ube lilungisa?
40:9b.JOB.040.009 Unengalo enjengekaThixo na, Ududume ngezwi njengaye?
40:10b.JOB.040.010 Khawuzihombise ke ngobungangamsha nokuphakama kwakho, Wambathe indili nobungangamela.
40:11b.JOB.040.011 Makuphalale ukuphuphuma komsindo wakho, Ulibone lonke ikratshi, uligungxule.
40:12b.JOB.040.012 Libone lonke ikratshi, ulithobe, Ubangqule abangendawo ezindaweni zabo.
40:13b.JOB.040.013 Baqhusheke eluthulini kunye, Ububophe ubuso babo emfihlekweni.
40:14b.JOB.040.014 Nam ndokudumisa, Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene.
40:15b.JOB.040.015 Khawuyibone imvubu endayenza yanawe: Idla utyani njengenkomo.
40:16b.JOB.040.016 Khawubone, amandla ayo asemanqeni ayo, Nokuqina kwayo kusezinyameni zesisu sayo.
40:17b.JOB.040.017 Igoba umsila wayo njengomsedare, Imisipha yamathanga ayo ibhijelene.
40:18b.JOB.040.018 Amathambo ayo anjengemibholompo yobhedu, Amathambo ayo anjengemivalo yesinyithi.
40:19b.JOB.040.019 Iyintlahlela yeendlela zikaThixo; UMenzi wayo wayinika ikrele layo.
40:20b.JOB.040.020 Ngokuba iintaba ziyithwalela ukudla, Onke amarhamncwa asendle adlala khona.
40:21b.JOB.040.021 Ibutha phantsi kwemitholo, Engcotyeni yeengcongolo nomgxobhozo.
40:22b.JOB.040.022 Imitholo iyigubungela ngomthunzi wayo; Imingculuba yesihlambo iyayijikeleza.
40:23b.JOB.040.023 Yabona, uhamba phandle umlambo, ayiphakuzeli; Ikholosile, xa kutyhobozela neYordan emlonyeni wayo.
40:24b.JOB.040.024 Inokubanjwa na, inamehlo nje, Igqojozwe impumlo ngentsimbi yokuthiyela?
41
41:1b.JOB.041.001 Unokuyirhola na ingwenya ngegwegwe, Ulutshonise elutyeni ulwimi lwayo?
41:2b.JOB.041.002 Unokuyifaka intambo yomzi empumlweni yayo na, Ugqobhoze izidlele zayo ngentola?
41:3b.JOB.041.003 Ingatarhuzisa kunene na kuwe, Ithethe amazwi athambileyo kuwe?
41:4b.JOB.041.004 Ingenza umnqophiso na nawe, Wokuba uyithabathe ibe ngumkhonzi waphakade?
41:5b.JOB.041.005 Ungadlala na nayo njengentaka, Uyikhulekele amantombazana akho?
41:6b.JOB.041.006 Angarhweba ngayo na amahlulelana abambisayo, Ayabe phakathi kwabarhwebi?
41:7b.JOB.041.007 Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe, Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi?
41:8b.JOB.041.008 Beka isandla sakho kuyo; Khumbula imfazwe, ungaphindi.
41:9b.JOB.041.009 Yabona, ukulinda kobambisayo ngamanga; Inene, uqethuka kwaesayibona.
41:10b.JOB.041.010 Akukho sijorha sokuyixhokonxa; Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam?
41:11b.JOB.041.011 Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze? Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.
41:12b.JOB.041.012 Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo, Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo.
41:13b.JOB.041.013 Ngubani na onokuwutyhila umphambili wesambatho sayo? Ezintlwini ezimbini zemihlathi yayo, ngubani na onokuya?
41:14b.JOB.041.014 Iingcango zobuso bayo, ngubani na onokuzivula? Ngeenxa zonke emazinyweni ayo sisothuso.
41:15b.JOB.041.015 Iliqhayiya imiqela yeengweletshetshe zayo, Zivalwe ngetywina eliqinileyo.
41:16b.JOB.041.016 Zisondelene enye nenye, Akungeni moya phakathi kwazo.
41:17b.JOB.041.017 Zinamathelene enye kwenye, Zibambene, zingabi nakwahlukana.
41:18b.JOB.041.018 Ukuthimla kwayo kukhupha imitha, Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo.
41:19b.JOB.041.019 Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo, Kuthaphuke iintlantsi zomlilo.
41:20b.JOB.041.020 Emathatheni ayo kuphuma umsi, Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi.
41:21b.JOB.041.021 Umphefumlo wayo uvuthisa amalahle, Kuphuma amalangatye emlonyeni wayo.
41:22b.JOB.041.022 Entanyeni yayo kuphuma amandla, Ebusweni bayo kuxhina ukuncama.
41:23b.JOB.041.023 Imihlubulo yenyama yayo inamathelene, Iqinile kuyo, ayishukumi.
41:24b.JOB.041.024 Intliziyo yayo iqine njengelitye, Iqine njengelokusila langaphantsi.
41:25b.JOB.041.025 Ekuphakameni kwayo, ziyanxunguphala iinjengele, Zithi makatha ngokuqhiphuka umbilini.
41:26b.JOB.041.026 Lifike kuyo ikrele, alimi; Nantshuntshe, namkhonto, nankonjane.
41:27b.JOB.041.027 Ithi singumququ isinyithi, Livithi ubhedu.
41:28b.JOB.041.028 Utolo lwesaphetha aluyibalekisi; Ajika abe ngumququ amatye okusawula kuyo.
41:29b.JOB.041.029 Ithi imivinqi ziindiza, Ikuhleke ukutyityimba kwenkcula.
41:30b.JOB.041.030 Ngaphantsi kwayo ziinkamba ezitsolo; Yaneka impahla yokusizila eludakeni.
41:31b.JOB.041.031 Iyibiliza inzulu njengembiza, Ulwandle ilwenza njengehlala loqholo.
41:32b.JOB.041.032 Emva kwayo kukhanya indlela; Anga amanzi anzongonzongo zizimvi.
41:33b.JOB.041.033 Ehlabathini akukho nto ifana nayo, Le yenziwayo ayaba nakuqhiphuka umbilini.
41:34b.JOB.041.034 Ibona konke okuphakamileyo; Ingukumkani yona kwizilo zonke ezinyalasayo.
42
42:1b.JOB.042.001 UYobhi wamphendula uYehova, wathi,
42:2b.JOB.042.002 Ndiyazi ukuba unako ukufeza konke, Akunqatyelwa nto uyicingileyo.
42:3b.JOB.042.003 Ngubani na lo usithe icebo engenakwazi? Ngoko ke ndithethe ndingaziqondi Izinto ezibalulekileyo kum, ndingazazi.
42:4b.JOB.042.004 Khawuphulaphule, ndithethe mna; Ndiya kubuza kuwe, undazise.
42:5b.JOB.042.005 Bendikuva ukukuva ngendlebe, Kungoku iliso lam likubonile.
42:6b.JOB.042.006 Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye, Ndiseluthulini naseluthuthwini.
42:7b.JOB.042.007 Ke kaloku kwathi, emva kokuba uYehova ewathethile la mazwi kuYobhi, wathi uYehova kuElifazi wakwaTeman, Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubamelwane bakho bobabini; kuba anithethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.
42:8b.JOB.042.008 Ngoku ke zithabatheleni iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zeegusha zibe sixhenxe, niye kumkhonzi wam uYobhi, nizinyusele idini elinyukayo, uYobhi umkhonzi wam anithandazele. Ndomnonelela yena yedwa, ukuze ndingenzi kuni ngokobudenge benu; kuba ningathethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.
42:9b.JOB.042.009 Baya ke ooElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama, benza njengoko wakuthethayo kubo uYehova. Waza uYehova wamnonelela ke uYobhi.
42:10b.JOB.042.010 UYehova wakubuyisa ukuthinjwa kukaYobhi, akubon ukuba ubathandazele oowabo. Wakongeza uYehova konke awayenako uYobhi, kwada kwaphindwa kabini.
42:11b.JOB.042.011 Beza kuye bonke abazalwana bakhe, noodade babo bonke, nabo bonke ababesazana naye ngenxa engaphambili, badla naye ukutya endlwini yakhe, bamkhuza, bamthuthuzela ngenxa yobubi bonke, abemfikisele bona uYehova; bamnika elowo ikhulu lemali, elowo ijikazi legolide.
42:12b.JOB.042.012 UYehova wakusikelela ukuphela kukaYobhi ngaphezu kokuqala kwakhe; waba neshumi elinesine lamawaka empahla emfutshane, nesithandathu samawaka eenkamela, newaka lezibini zeenkomo, newaka leemazi zamaesile.
42:13b.JOB.042.013 Waba noonyana abasixhenxe, neentombi ezintathu. Igama leyokuqala kwathiwa nguJemima,
42:14b.JOB.042.014 igama leyesibini nguKetsiya, igama leyesithathu nguKeren-hapuki.
42:15b.JOB.042.015 Akwafumaneka mankazana mahle njengeentombi zikaYobhi ezweni lonke. Uyise wazinika amafa phakathi kwabanakwazo.
42:16b.JOB.042.016 Emveni koko, uYobhi wadla ubomi iminyaka elikhulu elinamanci mane, wabona oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe, izizukulwana zazine.
42:17b.JOB.042.017 Wafa ke uYehobi, eyindoda enkulu, ephelele ebudaleni.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Job (Xhosa). Job (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3A9-D