Nehemiah (Xhosa)
1
1:1b.NEH.001.001 Ibali likaNehemiya unyana kaHakaliya. Kwathi ngenyanga enguKislevu, ngomnyaka wamashumi amabini, ndakubona ukuba ndiseShushan komkhulu,
1:2b.NEH.001.002 kwafika uHanani, omnye wakubazalwana bam, enamadoda avela kwaYuda. Ndababuza iindaba zamaYuda, amasalela asindileyo ekuthinjweni, nezeYerusalem.
1:3b.NEH.001.003 Bathi kum, Amaqongqolo asele ekuthinjweni, kwaYuda, asebubini obukhulu, nasekungcikivweni; nodonga lweYerusalem luqhekekile, namasango ayo atshe ngumlilo.
1:4b.NEH.001.004 Kwathi ndakuweva la mazwi, ndahlala phantsi, ndalila, ndenza isijwili iintsuku, ndazila ukudla, ndathandaza phambi koThixo wamazulu,
1:5b.NEH.001.005 ndathi, Camagu, Yehova, Thixo wamazulu, Thixo omkhulu, owoyikekayo, obagcinelayo umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe.
1:6b.NEH.001.006 Indlebe yakho mayikhe ibazeke, namehlo akho makhe avuleke, ukuze uwuphulaphule umthandazo womkhonzi wakho, endiwuthandazayo phambi kwakho ngoku, imini nobusuku, ngenxa yoonyana bakaSirayeli, abakhonzi bakho; nokuzixela kwam izono zoonyana bakaSirayeli, esone ngazo kuwe, Mna nendlu kabawo sonile;
1:7b.NEH.001.007 sonakalisile, senza ububi ngakuwe. Asiyigcinanga imithetho, nemimiselo, namasiko, obumwisele umthetho ngawo uMoses umkhonzi wakho.
1:8b.NEH.001.008 Khawulikhumbule ilizwi owamwisela umthetho ngalo uMoses umkhonzi wakho, elithi, Ukuba nina nithe nenza ubumenemene, ndonichithachithela ezizweni;
1:9b.NEH.001.009 ke ukuba nithe nabuyela kum, nayigcina imithetho yam, nayenza, nokuba kuthe kwabakho kuni abagxothelwe ekupheleni kwezulu; ndobabutha nalapho, ndibazise kuloo ndawo ndiyinyulele ukulibeka kuyo igama lam.
1:10b.NEH.001.010 Aba ke ngabakhonzi bakho, nabantu bakho, owabakhulula ngamandla akho amakhulu, nangesandla sakho esithe nkqi.
1:11b.NEH.001.011 Camagu, Nkosi yam, indlebe yakho mayikhe ibazelwe umthandazo womkhonzi wakho, nomthandazo wabakhonzi bakho, abathanda ukoyika igama lakho. Khawumphumelelise umkhonzi wakho namhla, umfumanise imfesane phambi kwale ndoda. Ke mna ndibe ndingumngcamli kukumkani.
2
2:1b.NEH.002.001 Kwathi ngenyanga enguNisan, ngomnyaka wamashumi amabini ka-Artashashta ukumkani, yabakho iwayini phambi kwakhe, ndayithabatha iwayini leyo, ndayinika ukumkani. Ke ndibe ndingazanga ndibonakale ndithe khunubembe phambi kwakhe.
2:2b.NEH.002.002 Wathi ukumkani kum, Kungani na ukuba ubuso bakho bube nje, ukuba bubi, ungafi nje? Le nto bububi bentliziyo, asinto yimbi. Ndoyika ke kakhulu kunene.
2:3b.NEH.002.003 Ndathi kukumkani, Ukumkani makadle ubomi ngonaphakade. Bebungathini na ukuba ubuso bam bungabi bubi, ulinxuwa nje umzi lowa, indawo yamangcwaba oobawo, amasango awo etshiswe ngomlilo?
2:4b.NEH.002.004 Wathi ukumkani kum, Ufuna ntoni na ke? Ndathandaza ke kuThixo wamazulu.
2:5b.NEH.002.005 Ndathi kukumkani, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, ukuba umkhonzi wakho lo uthe walungisa phambi kwakho, ndinga ungandithuma kwaYuda, kuwo umzi wamangcwaba oobawo, ndiwakhe.
2:6b.NEH.002.006 Wathi ukumkani kum (ukumkanikazi ehleli ngasecaleni lakhe), Uhambo lwakho loba lolwexesha elingakanani na? Wobuya nini na? Kwalunga ke kukumkani ukundithuma, ndakuba ndimmisele ixesha.
2:7b.NEH.002.007 Ndathi kukumkani, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe incwadi eya kumabamba aphesheya koMlambo, andiyeke ndidlule ndide ndiye kufika kwaYuda;
2:8b.NEH.002.008 nencwadi eya kuAsafu, umgcini wehlathi lokumkani, ukuba andinike imithi yemiqadi yamasango enqaba elunge kwindlu, neyodonga lomzi, neyendlu endiya kuhlala kuyo. Wandinika ke ukumkani ngokwesandla sikaThixo esilungileyo esiphezu kwam.
2:9b.NEH.002.009 Ndafika kumabamba anganeno koMlambo, ndawanika iincwadi zokumkani. Ke kaloku ukumkani ubendikhuphele nam abathetheli bempi, nabamahashe.
2:10b.NEH.002.010 Bathi ke ooSanebhalati waseHoron, noTobhiya umkhonzi, umAmon, bakuyiva loo nto, kwaba kubi kubo ngobubi obukhulu, ukuba kufike ununtu ofuna ukuba kulunge koonyana bakaSirayeli.
2:11b.NEH.002.011 Ndafika ke eYerusalem, ndaba neentsuku zantathu khona.
2:12b.NEH.002.012 Ndesuka ebusuku, mna ndinamadoda ambalwa. Andixelelanga mntu into abeyingenise entliziyweni yam uThixo wam, ukuba ndiyenzele iYerusalem. Ndibe ndingenamaqegu, ibilelo lodwa bendikhwele kulo.
2:13b.NEH.002.013 Ndaphuma ke ebusuku ngesango lomfula, ndasinga emthonjeni wenamba, nasesangweni lezala, ndilolonga iindonga zeYerusalem ezibe ziqhekekile, namasango ayo abetshiswe ngomlilo.
2:14b.NEH.002.014 Ndagqithela esangweni lomthombo, nasechibini lokumkani; akwabakho ndawo yokuba lithubeleze kuyo iqegu endandikhwele kulo.
2:15b.NEH.002.015 Ndakhweza ke isihlambo ngobusuku, ndilolonga udonga, ndabuya ndangena ngesango lomfula; ndabuya ke.
2:16b.NEH.002.016 Ke kaloku abaphathi babengazi apho ndandiye khona, nento endandiye kuyenza; bendingekawaxeleli amaYuda, nababingeleli, nabanumzana, nabaphathi, nabanye abenza umsebenzi.
2:17b.NEH.002.017 Ndathi kubo, Niyabubona ububi esikubo, ukuba iYerusalem ilinxuwa, namasango ayo atshiswe ngomlilo; yizani, sakhe udonga lweYerusalem, singabi saba lungcikivo.
2:18b.NEH.002.018 Ndabaxelela ukulunga kwesandla soThixo wam phezu kwam, namazwi okumkani awawathethayo kum. Bathi, Masisuke sakhe. Bazomeleza izandla zabo ukuwenza lo msebenzi ulungileyo.
2:19b.NEH.002.019 Bathi ke ooSanebhalati waseHoron, noTobhiya umkhonzi, umAmon, noGeshem umArabhi, bakuyiva loo nto, basigculela, basidela, bathi, Yintoni na le nto niyenzayo? Niya kugwilika na kukumkani?
2:20b.NEH.002.020 Ndabaphendula, ndathi kubo, UThixo wamazulu nguye oya kusiphumelelisa; thina bakhonzi bakhe siya kusuka sakhe; ke nina aninasabelo nalungelo nasikhumbuzo eYerusalem.
3
3:1b.NEH.003.001 Wesuka ke uEliyashibhi umbingeleli omkhulu, nabazalwana bakhe ababingeleli, balakha isango lempahla emfutshane; balingcwalisa bona; bazi misa iingcango zalo, bakha besa enqabeni ende yeMeha, bayingcwalisa, besa enqabeni ende kaHananeli.
3:2b.NEH.003.002 Ngakuye kwakusakha amadoda aseYeriko; ngakuwo kwakusakha uZakure unyana kaImri.
3:3b.NEH.003.003 Oonyana bakaSenaha balakha isango leentlanzi; bona balihlanganisa ngemiqadi; bazifaka iingcango zalo, nezitshixo zalo, nemivalo yalo.
3:4b.NEH.003.004 Ngakubo kwakulungiswa nguMeremoti unyana kaUriya, unyana kaHakotse; ngakubo kulungiswa nguMeshulam unyana kaBherekiya, unyana kaMeshezabheli; ngakubo kulungiswa nguTsadoki unyana kaBhahana;
3:5b.NEH.003.005 ngakubo kulungiswa ngabaseTekowa; ke iingangamsha zabo azizingenisanga zona iintamo zazo enkonzweni yeNkosi yazo.
3:6b.NEH.003.006 Isango lodonga oludala lalilungiswa ngoYoyada unyana kaPaseha, noMeshulam unyana kaBhesodiya; bona balihlanganisa ngemiqadi; bazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo.
3:7b.NEH.003.007 Ngakubo kwakulungiswa nguMelatiya waseGibheyon, noYadon waseMeronoti, namadoda aseGibheyon nawaseMizpa; kwesa esihlalweni sebamba langaneno koMlambo.
3:8b.NEH.003.008 Ngakuye kwakulungiswa ngu-Uziyeli unyana kaHarehaya, weengcibi zegolide; ngakuye kulungiswa nguHananiya unyana wabaqholi; bayakha iYerusalem, basa eludongeni olubanzi.
3:9b.NEH.003.009 Ngakubo kwakulungiswa nguRefaya unyana kaHure, umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem;
3:10b.NEH.003.010 ngakubo kulungiswa nguYedaya unyana kaHarumafi, malungana nendlu yakhe; ngakuye kulungiswa nguHatushe unyana kaHashabheniya.
3:11b.NEH.003.011 Esinye isithuba sesibini nenqaba ende yamaziko sasilungiswa nguMalekiya unyana kaHarim, noHashubhi unyana kaPahati, wakwaMowabhi.
3:12b.NEH.003.012 Ngakuye kwakulungiswa nguShalum unyana kaHaloheshe umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem; yena neentombi zakhe.
3:13b.NEH.003.013 Isango lomfula lalilungiswa nguHanun nabemi baseZanowa; bona balakha, bazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo, newaka leekubhite eludongeni, kwada kwesa esangweni lezala.
3:14b.NEH.003.014 Isango lezala lalilungiswa nguMalekiya unyana kaRekabhi, umphathi wesithili seBhete-kerem; walakha, wazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo.
3:15b.NEH.003.015 Isango lomthombo lalilungiswa nguShalum unyana kaKoli-hoze, umphathi wesithili saseMizpa; yena walakha, walifulela, wazifaka iingcango zalo, nezitshixo zalo, nemivalo yalo; walulungisa nodonga lwechibi leSilowa ngasemyezweni wokumkani; kwesa ezinyukweni zokuhla, kuvelwa emzini kaDavide.
3:16b.NEH.003.016 Emva kwakhe kwakulungiswa nguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umphathi wesiqingatha sesithili seBhete-tsure, kwesa malunga namangcwaba kaDavide, kwesa echibini elibe lenziwe, kwesa nasendlwini yamagorha.
3:17b.NEH.003.017 Emva kwakhe kwakulungiswa ngabaLevi bakaRehum, unyana kaBhani; ngakuye kulungiswa nguHashabhiya, umphathi wesiqingatha sesithili seKehila, esithilini sakhe.
3:18b.NEH.003.018 Emva kwakhe kwakulungiswa ngabazalwana babo, uBhawayi unyana kaHenadade, umphathi wesinye isiqingatha sesithili seKehila.
3:19b.NEH.003.019 Ngakuye kwakulungiswa nguEzere unyana kaYeshuwa, umphathi weMizpa, esinye isithuba, malunga nendawo enyukayo ngasendlwini yezikrweqe ekujikeni.
3:20b.NEH.003.020 Emva kwakhe kwazondelelwa kwalungiswa nguBharuki, unyana kaZabhayi, esinye isithuba; kwathabathela ekujikeni, kwesa emnyango wendlu kaEliyashibhi, umbingeleli omkhulu.
3:21b.NEH.003.021 Emva kwakhe kwakulungiswa nguMeremoti, unyana kaUriya, unyana kaHakotsi, esinye isithuba; kwathabathela emnyango wendlu kaEliyashibhi, kwesa ekupheleni kwendlu kaEliyashibhi.
3:22b.NEH.003.022 Emva kwakhe kwakulungiswa ngababingeleli, amadoda aloo mmandla.
3:23b.NEH.003.023 Emva kwabo kwakulungiswa nguBhenjamin noHashubhi, malunga nendlu yabo. Emva kwabo kwakulungiswa nguAzariya, unyana kaMahaseya, unyana ka-Ananiya, ngasendlwini yakhe.
3:24b.NEH.003.024 Emva kwakhe kwakulungiswa nguBhinwi unyana kaHenadade, esinye isithuba; kwathabathela endlwini ka-Azariya, kwesa ekujikeni, kwesa embombeni.
3:25b.NEH.003.025 Kwakulungiswa nguPalali unyana kaUzayi, ethabathela malunga ekujikeni, nasenqabeni ephezulu, edulusele endlwini yokumkani, ngasentendelezweni yentolongo. Emva kwakhe kwakulungiswa nguPedaya unyana kaParoshe.
3:26b.NEH.003.026 (Ke kaloku abakhonzi betempile babehlala eOfele, besa malunga nesango lamanzi empumalanga, nenqaba ende edulusele ngaphandle.)
3:27b.NEH.003.027 Emva kwakhe kwakulungiswa ngabaseTekowa, esinye isithuba; bethabathela malungana nenqaba enkulu edulusele ngaphandle, besa eludongeni lweOfele.
3:28b.NEH.003.028 Ngentla kwesango lamahashe kwakulungiswa ngababingeleli, elowo nalowo malunga nendlu yakhe.
3:29b.NEH.003.029 Emva kwabo kwakulungiswa nguTsadoki, unyana kaImere, malunga nendlu yakhe; emva kwakhe kulungiswa nguShemaya unyana kaShekaniya, umgcini wesango langasempumalanga.
3:30b.NEH.003.030 Emva kwakhe kwakulungiswa nguHananiya unyana kaShelemiya, noHanun unyana wesithandathu kaTsalafi, esinye isithuba. Emva kwakhe kwakulungiswa nguMeshulam unyana kaBherekiya, malunga negumbi lakhe.
3:31b.NEH.003.031 Emva kwakhe kwakulungiswa nguMalekiya, oweengcibi zegolide; kwesa kwindlu yabakhonzi betempile, neyabathengi, malunga nesango likaMifekadi, kwesa kwigumbi eliphezulu lembombo.
3:32b.NEH.003.032 Phakathi kwegumbi eliphezulu lembombo nesango lempahla emfutshane, kwakulungiswa ziingcibi zegolide nabathengi.
4
4:1b.NEH.004.001 Kwathi, akuva uSanebhalati ukuba siyalwakha udonga, wasuka wavutha umsindo wakhe, waqumba kunene, wawangcikiva amaYuda.
4:2b.NEH.004.002 Wathetha phambi kwabazalwana bakhe nempi yakwaSamari, wathi, Enza ntoni na la maYuda antshwenyileyo? ozinqabisa na? obingelela na? ogqiba namhla na? owavusa na amatye kwezi mfumba zothuli, etshile nje?
4:3b.NEH.004.003 Ke uTobhiya umAmon, engakuye, wathi, Nale nto ayakhayo, kungathi kunyuke impungutye le, iluqhekeze udonga lwawo lwamatye.
4:4b.NEH.004.004 Yiva, Thixo wethu; ngokuba sideliwe, ukubuyisele ezintlokweni zabo ukungcikiva kwabo, ubanikele ekuphangweni elizweni labathinjwa.
4:5b.NEH.004.005 Musa ukubuselela ubugwenxa babo; musa ukusicima isono sabo phambi kwakho; ngokuba bakuqumbisile phambi kwabakhi.
4:6b.NEH.004.006 Salwakha ke udonga, lwadityaniswa lonke udonga, kwesa esiqingatheni sokuphakama kwalo. Abantu babenentliziyo yokusebenza.
4:7b.NEH.004.007 Kwathi, akuva uSanebhalati, noTobhiya, nama-Arabhi, nama-Amon, nama-Ashdode, ukuba ziyenyuswa iindonga zeYerusalem; ukuba ziqaliwe, ziyavingcwa iintanda: wavutha umsindo wabo kunene.
4:8b.NEH.004.008 Bacebisana kunye bonke bephela, ukuba beze kulwa neYerusalem, bayonakalise.
4:9b.NEH.004.009 Sathandaza kuThixo wethu, samisa abokulinda imini nobusuku ngenxa yabo.
4:10b.NEH.004.010 Athi amaYuda, Amandla abathwali bemithwalo ayetha, inkunkuma ininzi; thina asinakulwakha udonga.
4:11b.NEH.004.011 Ababandezeli bethu abo babesithi, Akayi kwazi, akayi kubona, side singene phakathi kwawo, siwabulale, siwumise umsebenzi.
4:12b.NEH.004.012 Kwathi, akuza amaYuda abehleli emacaleni abo, athetha kuthi izihlandlo zalishumi, ephuma ezindaweni zonke, esithi, Buyelani kuthi.
4:13b.NEH.004.013 Ndesuka, ndamisa ezindaweni ezisezantsi emva kodonga, ezindaweni ezibalelelwa lilanga, ndamisa abantu ngokwemizalwane, benamakrele abo, nezikhali zabo, nezaphetha zabo.
4:14b.NEH.004.014 Ndakhangela, ndasuka ndathi kubanumzana, nakubaphathi, nakwabanye abantu, Musani ukuboyika; khumbulani iNkosi enkulu eyoyikekayo, nilwele abazalwana benu, noonyana benu, neentombi zenu, nabafazi benu, nezindlu zenu.
4:15b.NEH.004.015 Kwathi, zakuva iintshaba zethu ukuba siyazi thina, nokuba uThixo ulitshitshisile iqhinga lazo, sabuyela sonke siphela eludongeni, elowo emsebenzini wakhe.
4:16b.NEH.004.016 Kwathi, ukususela kuloo mini, esinye isiqingatha samadodana akwam sasebenza emsebenzini, esinye isiqingatha saphatha izikhali, neengweletshetshe, izaphetha, neengubo zentsimbi; kananjalo abaphathi babeyixhasile yonke indlu kaYuda.
4:17b.NEH.004.017 Ke aba babesakha eludongeni, nabathwala imithwalo, babethwala ngesinye isandla esibe sisebenza emsebenzini, baphathe izikhali ngesinye;
4:18b.NEH.004.018 nabakhi babesakha, benxibe elowo ikrele lakhe esinqeni sakhe. Ovuthela isigodlo ubesecaleni lam.
4:19b.NEH.004.019 Ndathi kubanumzana, nakubaphathi, nakwabanye abantu, Umsebenzi lo mkhulu, ubanzi; thina sithe saa eludongeni, omnye ekude komnye.
4:20b.NEH.004.020 Endaweni enithe neva ilizwi lesigodlo, nobuthelana kuyo kum; uThixo wosilwela.
4:21b.NEH.004.021 Sasisebenza emsebenzini, isiqingatha sawo siphethe izikhali, siqalela ekuphumeni kwesifingo, sizise ekuveleni kweenkwenkwezi.
4:22b.NEH.004.022 Kananjalo ndathi ngelo xesha ebantwini, Elowo nendodana yakwakhe makalale phakathi eYerusalem ebusuku, ukuze babe ngabalindi kuthi ebusuku, emini babe semsebenzini.
4:23b.NEH.004.023 Ke mna, nabazalwana bam, namadodana akwam, namadoda alindayo abendilandela, sibe singazikhululi iingubo zethu. Elowo ebenekrele lakhe kwesokunene.
5
5:1b.NEH.005.001 Ke kaloku kwabakho ukukhala okukhulu kwabantu nabafazi babo ngabazalwana babo amaYuda.
5:2b.NEH.005.002 Bekukho ababesithi, Sibaninzi thina, oonyana bethu, neentombi zethu; masamkele ingqolowa, ukuze sidle, siphile.
5:3b.NEH.005.003 Bekukho nababesithi, Amasimi ethu, nezidiliya zethu, nezindlu zethu, sibambisile ngazo; masamkele ingqolowa ngenxa yendlala.
5:4b.NEH.005.004 Bekukho nababesithi, Siboleke imali yokurhafela ukumkani, ngokubambisa ngamasimi ethu nezidiliya zethu.
5:5b.NEH.005.005 Kaloku inyama yethu ikwanjengenyama yabazalwana bethu, noonyana bethu bakwanjengoonyana babo; ukanti siyabanyanzela oonyana bethu neentombi zethu, ukuba babe ngamakhoboka; ezintombini zethu kukho nesezinyanzelwe; akukho mandla esandleni sethu, amasimi ethu nezidiliya zethu zizezabanye nje.
5:6b.NEH.005.006 Wavutha ke kakhulu umsindo wam, ndakukuva ukukhala kwabo, naloo mazwi.
5:7b.NEH.005.007 Ndafuna iqhinga entliziyweni yam, ndabambana nabanumzana nabaphathi, ndathi kubo, Niyadlana ngokuboleka. Ndabamisela ibandla elikhulu,
5:8b.NEH.005.008 ndathi kubo, Thina, ngangoko sinako, sibathengile sabakhulula abazalwana bethu amaYuda, ebe kuthengiswe ngabo kwiintlanga. Niya kusuka ke nina nithengise na ngabazalwana benu, ukuze bathengise ngeziqu zabo kuthi? Bathi cwaka, abafumana lizwi lakuphendula.
5:9b.NEH.005.009 Ndathi, Ayilungile le nto niyenzayo; nibe ningafanele na ukuhamba ekoyikeni uThixo wethu, ngenxa yokungcikiva kweentlanga eziziintshaba zethu?
5:10b.NEH.005.010 Kananjalo mna, abazalwana bam, namadodana akwam, sibaboleke imali nengqolowa; makhe sikuyeke oku kuboleka ngokubambisa.
5:11b.NEH.005.011 Khanibabuyisele kwanamhlanje amasimi abo, nezidiliya zabo, nezinquma zabo, nezindlu zabo; nesekhulu isahlulo semali, nesengqolowa, nesewayini entsha, neseoli, eniyibize kubo iyinzuzo.
5:12b.NEH.005.012 Bathi, Siya kusibuyisa, singabizi nto kubo; siya kwenza njengoko utshoyo. Ndabiza ababingeleli, ndabafungisa ukuba benze ngokwelo lizwi.
5:13b.NEH.005.013 Kananjalo ndavuthulula isondo lengubo yam, ndathi, UThixo makenjenje ukubavuthulula ezindlwini zabo, nasekuxelengeni kwabo, bonke abantu abangayi kulimisa elo lizwi; mabenjiwe nje ukuvuthululwa, balambathe. Lathi lonke ibandla, Amen; bamdumisa uYehova. Benza ke abantu ngokwelo lizwi.
5:14b.NEH.005.014 Kananjalo kususela kumhla endamiselwa ukuba ndibe libamba labo ezweni lakwaYuda, ndithabathela kumnyaka wamashumi amabini, ndezisa kumnyaka wamashumi amathathu anamibini ka-Artashashta ukumkani, iyiminyaka elishumi elinamibini, mna nabazalwana bam asidlanga kudla kwabamba.
5:15b.NEH.005.015 Ke amabamba okuqala abephambi kwam enza kwaba nzima ebantwini, athabatha kubo isonka newayini; emveni koko athabatha amashumi amane eeshekele zesilivere; kananjalo amadodana akwawo enza ngegunya ebantwini. Ke mna andenjanga njalo, ngokoyika uThixo.
5:16b.NEH.005.016 Kananjalo ndabamba emsebenzini wolo donga; asithenganga masimi; onke amadodana akwam ayehlanganisene khona emsebenzini.
5:17b.NEH.005.017 Ke amaYuda, abaphathi, amadoda alikhulu elinamanci mahlanu, kwanawezayo kuthi, evela ezintlangeni ezisijikelezileyo, abe esetafileni yam.
5:18b.NEH.005.018 Into ebe ilungiselelwa imini enye yaba yinkomo, neegusha ezikhethiweyo ezintandathu, neentaka, bekusenzelwa mna; neentlobo zonke ezininzi zewayini ngeentsuku ezilishumi; kuloo nto andibizanga kudla kwabamba, ngokuba yayinzima inkonzo phezu kwaba bantu.
5:19b.NEH.005.019 Ndikhumbulele okulungileyo, Thixo wam, ngako konke endikwenzele aba bantu.
6
6:1b.NEH.006.001 Kwathi, kwakuvakala kuSanebhalati, nakuTobhiya, nakuGeshem umArabhi, nakwezinye iintshaba zethu, ukuba ndilwakhile udonga, akwasala luthanda kulo (nakuba kwada kwalelo xesha ndingazimisanga iingcango emasangweni),
6:2b.NEH.006.002 bathumela kum uSanebhalati noGeshem, besithi, Yiza, sihlangane komnye wemizana esesihlanjeni seOno. Babecinga ukundenza into embi.
6:3b.NEH.006.003 Ndathumela abathunywa kubo, ndathi, Ndenza umsebenzi omkhulu, andinakuhla; yini na ukuba ume umsebenzi lo, ngokuthi ndiwuyeke, ndihle ndize kuni?
6:4b.NEH.006.004 Bathumela kum ngokunjalo izihlandlo zazine, ndabaphendula kwangelo lizwi.
6:5b.NEH.006.005 USanebhalati wathumela ngokunjalo kum indodana yakwakhe, isihlandlo sesihlanu, inencwadi evulekileyo esandleni sayo;
6:6b.NEH.006.006 kubhalwe kuyo kwathiwa, Kuvakele ezintlangeni, utsho noGashemu ukuthi, Wena namaYuda nicinga ukugwilika; ulwakha ngenxa yoko udonga olo; unqwenele ukuba ngukumkani wawo, ngokwaloo mazwi.
6:7b.NEH.006.007 Kananjalo umise abaprofeti bokumemeza ngawe eYerusalem, besithi, Kumkani wamaYuda! Ngoko ke kuya kuvakala kukumkani ngokwaloo mazwi; yiza ke ngoko, sicebisane.
6:8b.NEH.006.008 Ndathumela kuye, ndathi, Akukho nto injengaleyo uyithethayo, iyiloo nto uyicamngce entliziyweni yakho.
6:9b.NEH.006.009 Ngokuba bonke bephela bebesoyikisa, besithi, Izandla zawo ziya kuwuyeka lo msebenzi, ungenziwa. Ngoko, Thixo, zomeleze izandla zam.
6:10b.NEH.006.010 Ndaya endlwini kaShemaya unyana kaDelaya, unyana kaMehetabheli, evalelwe; wathi, Masihlangane endlwini kaThixo, ngaphakathi kwetempile, sizivale iingcango zetempile leyo; ngokuba baza kukubulala; ebusuku baya kuza kukubulala.
6:11b.NEH.006.011 Ndathi, Kubaleke indoda enjengam nje na? Yiyiphi na enjengam eya kungena etempileni isinde? Andiyi kungena.
6:12b.NEH.006.012 Ndaqonda: O! AsinguThixo lo umthumileyo; isiprofeto esi usithethe ngam ngokuqeshwa nguSanebhalati noTobhiya.
6:13b.NEH.006.013 Ubeqeshelwe ukuze ndoyike, ndenze loo nto, ndone; ndibe negama elibi kubo, ukuze bandingcikive.
6:14b.NEH.006.014 Bakhumbule, Thixo wam, ooTobhiya noSanebhalati ngokwezo zenzo zabo, kwanoNowadiya umprofetikazi, nabanye abaprofeti ababendoyikisa.
6:15b.NEH.006.015 Lwagqitywa udonga ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kaEluli, ngemihla emashumi mahlanu anamibini.
6:16b.NEH.006.016 Kwathi zakukuva oko iintshaba zethu zonke, zoyika zonke iintlanga ezisijikelezileyo, zetha amandla emehlweni azo, zazi ukuba kuvele kuThixo wethu ukwenziwa kwalo msebenzi.
6:17b.NEH.006.017 Kananjalo ngaloo mihla, abanumzana bakwaYuda bazongeza iincwadi eziya kuTobhiya, nezikaTobhiya bezisiza kubo.
6:18b.NEH.006.018 Ngokuba bebebaninzi kwaYuda ababemfungele; ngokuba ebengumyeni kwaShekaniya unyana ka-Ara; noYohanan unyana wakhe ubezeke intombi kaMeshulam unyana kaBherekiya.
6:19b.NEH.006.019 Kananjalo ukulunga kwakhe babekuthetha phambi kwam, namazwi am bewasa kuye. UTobhiya wathumela iincwadi zokundoyikisa.
7
7:1b.NEH.007.001 Ke kaloku kwathi, lwakwakhiwa udonga, ndazifaka iingcango; bamiswa abamasango, nabavumi, nabaLevi, ukuba bagcine umsebenzi wabo.
7:2b.NEH.007.002 Ndamwisela umthetho uHanani umzalwana wam, noHananiya umphathi wenqaba, ngeYerusalem; ngokuba ebeyindoda enyanisekileyo, emoyikayo uThixo ngaphezu kwabaninzi.
7:3b.NEH.007.003 Ndathi kubo, Amasango aseYerusalem makangavulwa, lide lifudumale ilanga; bathi, besemi belinda, bazivale iingcango, bazitshixe; nimise abagcini abangabemi baseYerusalem, elowo abe selugcinweni lwakhe, elowo abe phambi kwendlu yakhe.
7:4b.NEH.007.004 Umzi ububanzi ngeenxa zombini, umkhulu; abantu bembalwa phakathi kwawo, kungakhiwanga zindlu.
7:5b.NEH.007.005 UThixo wam wangenisa entliziyweni yam, ukuba ndibabuthe abanumzana, nabaphathi, nabantu, ukuba ndibabhalele emilibeni yokuzalwa. Ndafumana incwadi yemilibo yokuzalwa kwabo babenyuke ekuqaleni; ndafumana kubhaliwe khona kwathiwa:
7:6b.NEH.007.006 Ngabo aba oonyana belizwe lakwaYuda, abanyukayo kwabathinjiweyo basemfudusweni, awayebafudusile uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo,
7:7b.NEH.007.007 abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noAzariya, noRahamiya, noNahamani, noMordekayi, noBhileshan, noMisperete, noBhigevayi, noNehum, noBhahana. Inani lamadoda, abantu bakwaSirayeli, yayileli:
7:8b.NEH.007.008 oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.
7:9b.NEH.007.009 Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini.
7:10b.NEH.007.010 Oonyana baka-Ara ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anababini.
7:11b.NEH.007.011 Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini, anamakhulu asibhozo, anashumi linye linesibhozo.
7:12b.NEH.007.012 Oonyana bakaElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabane.
7:13b.NEH.007.013 Oonyana bakaZatu ibingamakhulu asibhozo, anamanci mane anabahlanu.
7:14b.NEH.007.014 Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu.
7:15b.NEH.007.015 Oonyana bakaBhinwi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mane anesibhozo.
7:16b.NEH.007.016 Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anesibhozo.
7:17b.NEH.007.017 Oonyana baka-Azegadi ibingamawaka amabini, anamakhulu mathathu, anamanci mabini anababini.
7:18b.NEH.007.018 Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anesixhenxe.
7:19b.NEH.007.019 Oonyana bakaBhigevayi ibingamawaka amabini, anamanci mathandathu anesixhenxe.
7:20b.NEH.007.020 Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anabahlanu.
7:21b.NEH.007.021 Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo.
7:22b.NEH.007.022 Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anesibhozo.
7:23b.NEH.007.023 Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anabane.
7:24b.NEH.007.024 Oonyana bakaHarifi ibilikhulu, elinashumi linye linababini.
7:25b.NEH.007.025 Oonyana baseGibheyon ibingamashumi asithoba anabahlanu.
7:26b.NEH.007.026 Amadoda aseBhetelehem naseNetofa ibilikhulu, elinamanci asibhozo anesibhozo.
7:27b.NEH.007.027 Amadoda aseAnatoti ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.
7:28b.NEH.007.028 Amadoda aseBhete-azemavete ibingamashumi amane anamabini.
7:29b.NEH.007.029 Amadoda aseKiriyati-yeharim, neKefira, neBheroti ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mane anamathathu.
7:30b.NEH.007.030 Amadoda aseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini ananye.
7:31b.NEH.007.031 Amadoda aseMikimas ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini.
7:32b.NEH.007.032 Amadoda aseBheteli neAyi ibilikhulu, elinamanci mabini anamathathu.
7:33b.NEH.007.033 Amadoda enye iNebho ibingamashumi amahlanu anamabini.
7:34b.NEH.007.034 Oonyana bomnye uElam ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabane.
7:35b.NEH.007.035 Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini.
7:36b.NEH.007.036 Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mane anabahlanu.
7:37b.NEH.007.037 Oonyana baseLodi neHadidi neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anamnye.
7:38b.NEH.007.038 Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu asithoba, anamanci mathathu.
7:39b.NEH.007.039 Ababingeleli: oonyana bakaYedaya, bendlu kaYeshuwa, ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.
7:40b.NEH.007.040 Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.
7:41b.NEH.007.041 Oonyana bakaPashure ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mane anesixhenxe.
7:42b.NEH.007.042 Oonyana bakaHarim ibiliwaka elinashumi linye linesixhenxe.
7:43b.NEH.007.043 AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodeva, ibingamashumi asixhenxe anabane.
7:44b.NEH.007.044 Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mane anesibhozo.
7:45b.NEH.007.045 Abamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, ibilikhulu, elinamanci mathathu anesibhozo.
7:46b.NEH.007.046 Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhahoti,
7:47b.NEH.007.047 oonyana bakaKerosi, oonyana bakaSiha, oonyana bakaPadon,
7:48b.NEH.007.048 oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana bakaSalemayi,
7:49b.NEH.007.049 oonyana bakaHanan, oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare,
7:50b.NEH.007.050 oonyana bakaRehaya, oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda,
7:51b.NEH.007.051 oonyana bakaGazam, oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha,
7:52b.NEH.007.052 oonyana bakaBhetsayi, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefishesim,
7:53b.NEH.007.053 oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHarehure,
7:54b.NEH.007.054 oonyana bakaBhatseliti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha,
7:55b.NEH.007.055 oonyana bakaBharkosi, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama,
7:56b.NEH.007.056 oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa.
7:57b.NEH.007.057 Oonyana babakhonzi bakaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSoferete, oonyana bakaPerida,
7:58b.NEH.007.058 oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGidele,
7:59b.NEH.007.059 oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Amon.
7:60b.NEH.007.060 Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini.
7:61b.NEH.007.061 Ngabo aba abenyuka bevela eTele-mela, naseTele-harsha, naseKerubhi-adoni-mere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise nomnombo wabo, ukuba ngabakwaSirayeli na:
7:62b.NEH.007.062 oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu, anamanci mane anababini.
7:63b.NEH.007.063 Ke kubabingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotse, oonyana bakaBharzilayi, owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo:
7:64b.NEH.007.064 abo bakufuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwayo emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.
7:65b.NEH.007.065 Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.
7:66b.NEH.007.066 Lonke ibandla lindawonye ibe ingamawaka angamashumi amane anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu;
7:67b.NEH.007.067 zizodwa izicaka zabo ezi nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini, anamanci mane anantlanu.
7:68b.NEH.007.068 Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mane anabahlanu;
7:69b.NEH.007.069 iinkamela ibingamakhulu amane, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini.
7:70b.NEH.007.070 Inxenye yeentloko zezindlu zooyise yanikela emsebenzini. Irhuluneli yanikela ebuncwaneni igolide eliwaka leedarike, namashumi amahlanu ezitya zokutshiza, namashumi amathathu eengubo zangaphantsi zababingeleli, nesilivere engamawaka amalulanu eemina.
7:71b.NEH.007.071 Inxenye yeentloko zezindlu zooyise yanikela ebuncwaneni bomsebenzi igolide engamawaka amashumi amabini eedarike, nesilivere engamawaka amabini, anamakhulu amabini eemina.
7:72b.NEH.007.072 Okwanikwayo ngabanye abantu ibe iyigolide engamawaka amashumi amabini eedarike, nesilivere engamawaka amabini, namashumi amathandathu anesixhenxe eengubo zangaphantsi zababingeleli.
7:73b.NEH.007.073 Bahlala ke ababingeleli, nabaLevi, nabamasango, neemvumi, nenxenye yabantu, nabakhonzi betempile, namaSirayeli onke emizini yakomawabo. Ithe yakufika inyanga yesixhenxe, baba oonyana bakaSirayeli besemizini yakomawabo.
8
8:1b.NEH.008.001 Bahlangana bonke abantu njengamntu mnye endaweni yembutho ephambi kwesango lamanzi, bathi kuEzra umbhali, makazise incwadi yomyalelo kaMoses, awawumiselayo uYehova kumaSirayeli.
8:2b.NEH.008.002 UEzra umbingeleli wawuzisa umyalelo phambi kwebandla elo, lithabathele kwindoda lesa kumfazi, nakubo bonke abanokuva baqonde, ngomhla wokuqala wenyanga yesixhenxe.
8:3b.NEH.008.003 Walesa kuwo phambi kwendawo yembutho ephambi kwesango lamanzi, eqale ekuseni kwada kwaba semini enkulu, phambi kwamadoda nabafazi, nabasebenokuqonda; iindlebe zabantu bonke zaphulaphula loo ncwadi yomyalelo.
8:4b.NEH.008.004 Wema ke uEzra umbhali esikhwelweni somthi, ababesenzele loo nto. Kwema ngakuye uMatitiya, noShema, noAnaya, noUriya, noHilekiya, noMahaseya, ngasekunene kwakhe; ngasekholo yanguPedaya, noMishayeli, noMalekiya, noHashum, noHashebhadana, noZekariya, noMeshulam.
8:5b.NEH.008.005 UEzra wayivula incwadi emehlweni abantu bonke (ngokuba wayebaphakamele abantu bonke) akuyivula, bema abantu bonke.
8:6b.NEH.008.006 UEzra wambonga uYehova, uThixo omkhulu. Baphendula bonke abantu, bathi, Amen, amen, bephakamisa izandla zabo. Bathoba, baqubuda kuYehova, bebhekise ubuso babo emhlabeni.
8:7b.NEH.008.007 OoYeshuwa, noBhani noSherebhiya, noYamin, noAkubhi, noShabhetayi, noHodiya, noMahaseya, noKelita, noAzariya, noYozabhadi, noHanan, noPelaya, nabaLevi, babaqondisa abantu umyalelo, abantu bemi ezindaweni zabo.
8:8b.NEH.008.008 Balesa encwadini, emyalelweni kaThixo, ngokucacileyo, beqononondisa; bakuqonda ke ukulesa oku.
8:9b.NEH.008.009 Wathi uNehemiya oyirhuluneli, noEzra umbingeleli, umbhali, nabaLevi abazondisa abantu, ebantwini bonke, Le mini ingcwele kuYehova uThixo wethu; musani ukwenza isijwili, musani ukulila. Ngokuba babelila bonke abantu, bakuweva amazwi omyalelo lowo.
8:10b.NEH.008.010 Wathi kubo, Yiyani, nidle amanqatha, nisele izinto ezinencasa, nise isabelo kwabangalungiselwanga nto; ngokuba le mini ingcwele kwiNkosi yethu. Musani ukuba buhlungu; ngokuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.
8:11b.NEH.008.011 NabaLevi babebathuthuzela abantu bonke, besithi, Yithini tu; ngokuba le mini ingcwele; musani ukuba buhlungu.
8:12b.NEH.008.012 Besuka bonke abantu, baya kudla, basela, bathuma izabelo, bavuya kakhulu: ngokuba bawaqonda amazwi ababewaxelelwa.
8:13b.NEH.008.013 Ngomhla wesibini kwahlanganisana iintloko zezindlu zooyise zabantu bonke, nezababingeleli, nezabaLevi, zeza kuEzra umbhali ukuwaqiqa amazwi omyalelo.
8:14b.NEH.008.014 Bafumana kubhaliwe emyalelweni, awawumiselayo uYehova ngoMoses, ukuthi, oonyana bakaSirayeli mabahlale eminqubeni ngomthendeleko wenyanga yesixhenxe;
8:15b.NEH.008.015 nokuthi mabavakalise, bahambise ilizwi emizini yabo yonke, naseYerusalem, lokuthi, Phumani niye ezintabeni, nize namahlamvu eminquma, namahlamvu eminquma yasendle, namahlamvu emimirtile, namahlamvu esundu, namahlamvu emithi ethe shinyi, ukuze kwenziwe iminquba ngoko kubhaliweyo.
8:16b.NEH.008.016 Baphuma abantu, bawazisa, bazenzela iminquba, elowo phezu kwendlu yakhe, nasezintendelezweni zabo, nasezintendelezweni zendlu kaThixo, nasendaweni yembutho yesango lamanzi, nasendaweni yembutho yesango likaEfrayim.
8:17b.NEH.008.017 Lonke ibandla elalibuye ekuthinjweni lenza iminquba, lahlala eminqubeni; ngokuba oonyana bakaSirayeli babengenzanga ngokunjalo kususela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNun, kwada kwayiloo mini. Kwabakho ke uvuyo olukhulu kunene.
8:18b.NEH.008.018 Kwaleswa encwadini yomyalelo kaThixo imihla ngemihla, kwathabathela kumhla wokuqala kwezisa kumhla wokugqibela. Benza umthendeleko imihla yasixhenxe; ngomhla wesibhozo yaba yingqungquthela ngokwesiko.
9
9:1b.NEH.009.001 Ke kaloku ngomhla wamashumi amabini anesine waloo nyanga, bahlanganisana oonyana bakaSirayeli, bezila ukudla, beneengubo ezirhwexayo, bezigalele umhlaba.
9:2b.NEH.009.002 Yazahlula imbewu kaSirayeli koonyana bonke bolunye uhlanga, bema bazixela izono zabo, nobugwenxa booyise.
9:3b.NEH.009.003 Bema endaweni yabo, belesa encwadini yomyalelo kaYehova uThixo wabo, isahlulo sesine semini; esinye isahlulo sesine bexela izono zabo, bemnqula uYehova uThixo wabo.
9:4b.NEH.009.004 Benyuka bema esikhwelweni sabaLevi ooYeshuwa noBhani, noKademiyeli, noShebhaniya, noBhuni, noSherebhiya, noBhani, noKenani; bamemeza ngezwi elikhulu kuYehova uThixo wabo.
9:5b.NEH.009.005 Bathi abaLevi, ooYeshuwa, noKademiyeli, noBhani, noHashabheneya, noSherebhiya, noHodiya, noShebhaniya, noPetaya: Sukani nime. Bongani uYehova uThixo wenu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Malibongwe igama lobuqaqawuli bakho, elikuphakameleyo konke ukubonga nokudumisa.
9:6b.NEH.009.006 Wena unguYehova wedwa, wena wenza izulu, izulu lawo amazulu, nomkhosi wawo wonke, umhlaba nento yonke ephezu kwawo, iilwandle neento zonke ezikhona, uzidlisa ubomi zonke ezo zinto; umkhosi wamazulu uqubuda kuwe.
9:7b.NEH.009.007 Wena unguYehova, uThixo owanyula uAbram, wamkhupha eUre yamaKaledi, wamthiya igama elinguAbraham.
9:8b.NEH.009.008 Wayifumana intliziyo yakhe inyanisekile phambi kwakho, wenza naye umnqophiso wokulinika ilizwe lamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaYebhusi, namaGirgashi, wokulinika imbewu yakhe; wawamisa ke amazwi akho, ngokuba ulilungisa.
9:9b.NEH.009.009 Wazibona iintsizi zoobawo eYiputa, wakuva ukukhala kwabo eLwandle oluBomvu;
9:10b.NEH.009.010 wenza imiqondiso nezimanga kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakubantu bonke belizwe lakhe, ngokuba ubusazi ukuba baye bebakhukhumalele; wazenzela igama njengoko kunjalo nanamhla.
9:11b.NEH.009.011 Walwahlula ulwandle phambi kwabo; bawela elwandle komile, abasukeli babo wabazulumbela ezinzulwini njengelitye emanzini anamandla.
9:12b.NEH.009.012 Wabakhokela ngomqulu welifu emini, nangomqulu womlilo ebusuku, ukuba ubakhanyisele indlela ababehamba ngayo.
9:13b.NEH.009.013 Wehla phezu kwentaba yeSinayi, wathetha nabo uvela emazulwini, wabanika amasiko athe tye, nemiyalelo eyinyaniso, nemimiselo, nemithetho elungileyo;
9:14b.NEH.009.014 wabazisa isabatha yakho engcwele, wabamisela imithetho, nemimiselo, nomyalelo, ngesandla sikaMoses umkhonzi wakho.
9:15b.NEH.009.015 Wabanika isonka sasezulwini ngenxa yokulamba kwabo, wabavelisela namanzi engxondorheni ngenxa yokunxanwa kwabo; wathi kubo, mabaye kulihlutha ilizwe, owabaphakamisela isandla sakho, ukuba wobanika lona.
9:16b.NEH.009.016 Ke bona oobawo bakhukhumala, bazenza lukhuni iintamo zabo, abayiphulaphula imithetho yakho.
9:17b.NEH.009.017 Abavuma ukuva, abayikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo, owayenzayo kubo. Bazenza lukhuni iintamo zabo, bamisa iintloko, ukuba babuyele ebukhobokeni babo ngeenkani zabo; wena wathi, kuba unguThixo wokuxolela, ubabala, unemfesane, uzeka kade umsindo, umninzi ngenceba, akwabashiya.
9:18b.NEH.009.018 Noko ke bazenzela ithole elingumfanekiso otyhidiweyo, bathi, Nguye lo uThixo wakho owakunyusayo eYiputa; bakugiba kakhulu.
9:19b.NEH.009.019 Ke wena, ngeemfesane zakho ezinkulu, akubashiyanga entlango; umqulu welifu wokubakhokela ngendlela awumkanga kubo emini, nomqulu womlilo ebusuku wokubakhanyisela indlela ababamba ngayo.
9:20b.NEH.009.020 Wabanika umoya wakho olungileyo, ukuba ubaqononondise; akuwuvimbanga umlomo wabo imana yakho, wabanika amanzi ngenxa yenxano labo.
9:21b.NEH.009.021 Iminyaka emashumi mane wabafunzela entlango, abaswela nto; iingubo zabo azonakalanga bubudala, iinyawo zabo azidumbanga.
9:22b.NEH.009.022 Wabanika izikumkani nezizwe, wabahlulahlula ngokwemida yabo; balihlutha ilizwe lakwaSihon, ilizwe lokumkani waseHeshbhon, kwanelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan.
9:23b.NEH.009.023 Wabandisa oonyana babo njengeenkwenkwezi zezulu; wabazisa kwelo zwe, wathi kooyise mabaze balihluthe.
9:24b.NEH.009.024 Bangena ke oonyana abo, balihlutha ilizwe elo; wabathoba phambi kwabo abemi belizwe, amaKanan, wawanikela ezandleni zabo, ookumkani bawo nezizwe zelizwe elo, ukuba benze kuzo ngokuzithandela kwabo.
9:25b.NEH.009.025 Bayithimba imizi enqatyisiweyo, nomhlaba otyebileyo; bahlutha izindlu zizele zizinto zonke ezintle, amaqula ambiweyo, nezidiliya, nezinquma, nemithi edliwayo yamininzi. Badla, bahlutha, batyeba, baziyolisa ngokulunga kwakho okukhulu.
9:26b.NEH.009.026 Besuka baphika, bagwilika kuwe, umyalelo wakho bawuphosela emva komhlana wabo, bababulala abaprofeti bakho ababengqina kubo, ukuba bababuvisele kuwe; bakugiba kakhulu.
9:27b.NEH.009.027 Wabanikela ezandleni zababandezeli babo, bababandezela. Ngexesha lokubandezelwa kwabo bakhala kuwe; wena weva usemazulwini, wabanika abasindisi ngokweemfesane zakho ezinkulu, babasindisa ezandleni zababandezeli babo.
9:28b.NEH.009.028 Bakuba nokuphumla, babuya benza okubi phambi kwakho, wabashiya ezandleni zeentshaba zabo, zabanyathela. Babuya bakhala kuwe; wena weva usemazulwini, wabahlangula ngokweemfesane zakho amaxesha amaninzi.
9:29b.NEH.009.029 Wangqina ngabo, ukuba ubabuyisele emyalelweni wakho; ke bona bakhukhumala, abayiphulaphula imithetho yakho; amasiko akho bona kuwo, awothi umntu owenzayo aphile ngawo; bamangala negxalaba, bazenza lukhuni iintamo zabo, abaphulaphula.
9:30b.NEH.009.030 Wabathwala iminyaka emininzi, wangqina ngabo ngoMoya wakho, ngabaprofeti bakho; abakubekela ndlebe; wabanikela ke ezandleni zezizwe zamazwe.
9:31b.NEH.009.031 Ke ngeemfesane zakho ezinkulu akubagqibanga kuphele, akubashiyanga; ngokuba unguThixo onobabalo, nemfesane.
9:32b.NEH.009.032 Kaloku, Thixo wethu, Thixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ogcina umnqophiso nenceba, mayingabi ncinane phambi kwakho yonke indiniso esiyifumeneyo thina, nookumkani bethu, nabathetheli bethu, nababingeleli bethu, nabaprofeti bethu, noobawo, nabantu bakho bonke, kususela kwimihla yookumkani baseAsiriya, kude kube yile mini.
9:33b.NEH.009.033 Ulilungisa entweni yonke esifikeleyo; ngokuba wena wenze inyaniso, ke thina senze okungendawo.
9:34b.NEH.009.034 Ookumkani bethu, nabathetheli bethu, nababingeleli bethu, noobawo, abawenzanga umyalelo wakho, abazibazanga iindlebe emithethweni yakho, nasezingqinweni zakho, owangqina ngazo ngabo.
9:35b.NEH.009.035 Bona, ebukumkanini babo, ekulungeni kwakho okukhulu owabanikayo, ezweni elibanzi, elityebileyo, owabanikayo, abakukhonzanga, ababuyanga ezenzweni zabo ezibi.
9:36b.NEH.009.036 Yabona, singabakhonzi namhla; nelizwe owalinika oobawo, ukuba sidle iziqhamo zalo nokulunga kwalo, nanku singabakhonzi kulo.
9:37b.NEH.009.037 Ungeniselo lwalo lilwandisela ookumkani, owabamisa phezu kwethu ngenxa yezono zethu; bayayilawula imizimba yethu neenkomo zethu, ngokuzithandela kwabo; sisembandezelweni enkulu.
9:38b.NEH.009.038 Ngezo zinto zonke senza umnqophiso wenene, sawubhala; bawutywina abathetheli bethu, nabaLevi bethu, nababingeleli bethu.
10
10:1b.NEH.010.001 Abo ke bawutywinayo: nguNehemiya irhuluneli, unyana kaHakaliya, noZedekiya,
10:2b.NEH.010.002 noSeraya, noAzariya, noYeremiya,
10:3b.NEH.010.003 noPashure, noAmariya, noMalekiya,
10:4b.NEH.010.004 noHatushe, noShebhaniya, noMaluki,
10:5b.NEH.010.005 noHarim, noMeremoti, no-Obhadiya,
10:6b.NEH.010.006 noDaniyeli, noGineton, noBharuki,
10:7b.NEH.010.007 noMeshulam, noAbhiya, noMiyamin,
10:8b.NEH.010.008 noMahazeya, noBhilegayi, noShemaya; abo ngababingeleli.
10:9b.NEH.010.009 AbaLevi: nguYeshuwa unyana ka-Azaniya, noBhinwi koonyana bakaHenadade, noKademiyeli.
10:10b.NEH.010.010 Nabazalwana babo: nguShebhaniya, noHodiya, noKelita, noPelaya, noHanan,
10:11b.NEH.010.011 noMika, noRehobhi, noHashabhiya,
10:12b.NEH.010.012 noZakure, noSherebhiya, noShebhaniya,
10:13b.NEH.010.013 noHodiya, noBhani, noBheninu.
10:14b.NEH.010.014 Iintloko zabantu: nguParoshe, noPahati wakwaMowabhi, noElam, noZatu, noBhani,
10:15b.NEH.010.015 noBhuni, noAzegadi, noBhebhayi,
10:16b.NEH.010.016 noAdoniya, noBhigvayi, noAdin,
10:17b.NEH.010.017 noAtere, noHezekiya, noAzure,
10:18b.NEH.010.018 noHodiya, noHashum, noBhetsayi,
10:19b.NEH.010.019 noHarifi, noAnatoti, noNebhayi,
10:20b.NEH.010.020 noMagepihashe, noMeshulam, noHezire,
10:21b.NEH.010.021 noMeshezabheli, noTsadoki, noYaduwa,
10:22b.NEH.010.022 noPelatiya, noHanan, noAnaya,
10:23b.NEH.010.023 noHosheya, noHananiya, noHashubhi,
10:24b.NEH.010.024 noHaloheshe, noPileha, noShobheki,
10:25b.NEH.010.025 noRehum, noHashabena, noMahaseya,
10:26b.NEH.010.026 noAhiya, noHanan, noAnan,
10:27b.NEH.010.027 noMaluki, noHarim, noBhahana.
10:28b.NEH.010.028 Abanye abantu, ababingeleli, nabaLevi, nabamasango, neemvumi, nabakhonzi betempile, nabo bonke ababezahlule kwizizwe zamazwe, beza emyalelweni kaThixo; abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, bonke abasebenokwazi nokuqonda.
10:29b.NEH.010.029 Babambelela kubazalwana babo, iingangamsha zabo, bangena esiqalekisweni nasesifungweni sokuhamba ngomyalelo kaThixo, owawiswa ngesandla sikaMoses umkhonzi kaThixo, nokuyigcina nokuyenza yonke imithetho kaYehova iNkosi yethu, namasiko akhe, nemimiselo yakhe:
10:30b.NEH.010.030 singazendiseli iintombi zethu kwizizwe zeli lizwe, singabazekeli oonyana bethu iintombi zazo;
10:31b.NEH.010.031 sithi izizwe zeli lizwe ezizisa izinto zentengo, nengqolowa, nokuba yiyiphi, ngemini yesabatha, zithengisa, singathengi kuzo ngesabatha nangomhla ongcwele; siwuyeke ulale umnyaka wesixhenxe, nento ebolekiweyo sisandla nokuba sesikabani.
10:32b.NEH.010.032 Sizimisele imithetho yokubeka phezu kwethu isahlulo sesithathu seshekele ngomnyaka, ngenxa yenkonzo yendlu kaThixo wethu:
10:33b.NEH.010.033 ngenxa yezonka ezicwangcisiweyo, nomnikelo wokudla wamaxesha onke, nangenxa yedini elinyukayo lamaxesha onke, nelesabatha, nelokuthwasa kwenyanga, nangenxa yamaxesha amisiweyo, nangenxa yezinto ezingcwele, nangenxa yamadini ezono okucamagushela amaSirayeli, nomsebenzi wonke wendlu kaThixo wethu.
10:34b.NEH.010.034 Sibawisele amaqashiso ngomsondezo weenkuni ababingeleli, nabaLevi, nabantu, ukuba ziziswe endlwini kaThixo wethu, ngokwezindlu zethu zooyise, ngamaxesha amisiweyo, iminyaka ngeminyaka, ukuba zibaswe esibingelelweni sikaYehova uThixo wethu, ngoko kubhaliweyo emyalelweni;
10:35b.NEH.010.035 sizise iintlahlela zomhlaba wethu, neentlahlela zeziqhamo zonke zemithi yonke, iminyaka ngeminyaka, endlwini kaYehova;
10:36b.NEH.010.036 nabamazibulo koonyana bethu nawemfuyo yethu, ngoko kubhaliweyo emyalelweni, namazibulo eenkomo zethu, nawempahla emfutshane, siwazise endlwini kaThixo wethu, kubabingeleli abalungiselelayo endlwini kaThixo wethu;
10:37b.NEH.010.037 neentlahlela zemigrayo yethu, nemirhumo yethu, neziqhamo zemithi yonke, iwayini entsha, neoli, sizizise kubabingeleli emagumbini endlu kaThixo wethu; nezishumi zemihlaba yethu kubaLevi; bona abaLevi bazamkele izishumi emizini yonke esilima kuyo.
10:38b.NEH.010.038 Umbingeleli unyana ka-Aron aze abekho nabaLevi, ekuzamkeleni kwabaLevi izishumi; bazinyuse abaLevi izishumi zezishumi ezo, bazizise endlwini kaThixo wethu, emagumbini endlu yobuncwane;
10:39b.NEH.010.039 ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaLevi baya kuzisa umrhumo wengqolowa, newayini entsha, neoli, emagumbini apho zikhona iimpahla ezingcwele, nababingeleli abalungiselelayo, nabamasango, neemvumi; indlu kaThixo wethu singayishiyi.
11
11:1b.NEH.011.001 Bahlala abathetheli babantu eYerusalem; abanye abantu bawisa amaqashiso, ukuba kungeniswe abe mnye kwabalishumi, ahlale eYerusalem kuwo umzi ongcwele, nezinye izahlulo ezisithoba zihlale kweminye imizi.
11:2b.NEH.011.002 Abantu bawasikelela amadoda onke aqhutywa yintliziyo ukuba ahlale eYerusalem.
11:3b.NEH.011.003 Zizo ezi iintloko zelizwe lakwaYuda, ezahlala eYerusalem; ke emizini yakwaYuda, yaba ngulowo wahlala elifeni lakhe, emizini yabo, ingamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, nabakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon.
11:4b.NEH.011.004 EYerusalem kwahlala ezoonyana bakaYuda, nezoonyana bakaBhenjamin. Koonyana bakaYuda: yanguAtaya, unyana kaUziya, unyana kaZekariya, unyana ka-Amariya, unyana kaShefatiya, unyana kaMahalaleli koonyana bakaPeretse;
11:5b.NEH.011.005 noMahaseya, unyana kaBharuki, unyana kaKoli-hoze, unyana kaHazaya, unyana ka-Adaya, unyana kaYoyaribhi, unyana kaZekariya, unyana womSheloni.
11:6b.NEH.011.006 Bonke oonyana bakaPeretse, ababehlala eYerusalem, ibingamakhulu amane, anamanci mathandathu anesibhozo, amadoda anobukroti.
11:7b.NEH.011.007 Ngabo aba oonyana bakaBhenjamin: ibinguSalu, unyana kaMeshulam, unyana kaYohedi, unyana kaPedaya, unyana kaKolaya, unyana kaMahaseya, unyana kaItiyeli, unyana kaYesaya.
11:8b.NEH.011.008 Emva kwakhe ibinguGabhayi-salayi, enamakhulu asithoba, anamanci mabini anesibhozo;
11:9b.NEH.011.009 noYoweli unyana kaZikri, umphathi kubo, noYuda unyana kaSenwa, engowesibini kubaphathi bomzi.
11:10b.NEH.011.010 Kubabingeleli: ibinguYedaya unyana kaYoyaribhi, noYakin,
11:11b.NEH.011.011 noSeraya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, inganga yendlu kaThixo,
11:12b.NEH.011.012 nabazalwana babo ababesenza umsebenzi wendlu, bengamakhulu asibhozo, anamanci mabini anababini; noAdaya unyana kaYeroham, unyana kaPelaleya, unyana ka-Amtsi, unyana kaZekariya, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya,
11:13b.NEH.011.013 nabazalwana bakhe, iintloko zezindlu zooyise, bengamakhulu amabini, anamanci mane anababini; noAmashesayi, unyana ka-Azareli, unyana ka-Azayi, unyana kaMeshilemoti, unyana kaImere;
11:14b.NEH.011.014 nabazalwana babo, amagorha anobukroti, belikhulu elinamanci mabini anesibhozo; umphathi kubo ibinguZabhediyeli unyana kaGedolim.
11:15b.NEH.011.015 KubaLevi: ibinguShemaya unyana kaHashubhi, unyana ka-Azarikam, unyana kaHashabhiya, unyana kaBhuni,
11:16b.NEH.011.016 noShabhetayi, noYozabhadi, ababephethe umsebenzi ongaphandle wendlu kaThixo, kwiintloko zabaLevi;
11:17b.NEH.011.017 noMataniya unyana kaMika, unyana kaZabhedi, unyana ka-Asafu, obengumhlabeli wezokudumisa emthandazweni, noBhakebhukiya, obengowesibini kubazalwana bakhe, noAbheda, unyana kaShamuwa, unyana kaGalali, unyana kaYedutun.
11:18b.NEH.011.018 Bebonke abaLevi emzini ongcwele babengamakhulu amabini, anamanci asibhozo anabane.
11:19b.NEH.011.019 Abamasango: ibinguAkubhi, noTalemon, nabazalwana babo abagcina amasango, belikhulu elinamanci asixhenxe anababini.
11:20b.NEH.011.020 Amanye amaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, babekweminye imizi yonke yakwaYuda, elowo eselifeni lakhe.
11:21b.NEH.011.021 Ke abakhonzi betempile babehlala eOfele; abakhonzi abo betempile babephethwe nguTsiha noGishpa.
11:22b.NEH.011.022 Umphathi wabaLevi eYerusalem ibingu-Uzi unyana kaBhani, unyana kaHashabhiya, unyana kaMataniya, unyana kaMika koonyana baka-Asafu, iimvumi, malunga nomsebenzi wendlu kaThixo.
11:23b.NEH.011.023 Ngokuba umthetho wokumkani ubuphezu kwabo, nomnqophiso wenene ubuphezu keemvumi malunga nento yemini ngangemini yayo.
11:24b.NEH.011.024 UPetaya unyana kaMeshezabheli, koonyana bakaZera, unyana kaYuda, ubesisandla sokumkani ezintweni zonke zabantu.
11:25b.NEH.011.025 Emizini nasemaphandleni ayo kwahlala inxenye yoonyana bakaYuda eKiriyati ka-Arbha namagxamesi ayo, naseDibhon namagxamesi ayo, naseKabhetseli nemizi yayo,
11:26b.NEH.011.026 naseYeshuwa, naseMolada, naseBhete-palete,
11:27b.NEH.011.027 naseHatsore-shuwali, naseBher-shebha namagxamesi ayo,
11:28b.NEH.011.028 naseTsikelage, naseMekona namagxamesi ayo,
11:29b.NEH.011.029 nase-Enrimon, naseTsora, naseYarmuti,
11:30b.NEH.011.030 naseZanowa, naseAdulam namagxamesi ayo, naseLakishe, nasemaphandleni ayo, naseAzeka namagxamesi ayo. Bahlala ke, bathabathela eBher-shebha besa emfuleni wakwaHinom.
11:31b.NEH.011.031 Oonyana bakaBhenjamin bathabathela eGebha, besa eMikimas, naseAya, naseBheteli namagxamesi ayo,
11:32b.NEH.011.032 naseAnatoti, naseNobhi, naseAnaniya,
11:33b.NEH.011.033 naseHatsore, naseRama, naseGitayim,
11:34b.NEH.011.034 naseHadidi, naseTsebhoyim, naseNebhalati,
11:35b.NEH.011.035 naseLode, naseOno emfuleni weengcibi.
11:36b.NEH.011.036 NakubaLevi kwaphuma amaqela kwaYuda, eza kwaBhenjamin.
12
12:1b.NEH.012.001 Ngabo aba ababingeleli nabaLevi, abenyuka noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa: ibinguSeraya, noYeremiya, noEzra,
12:2b.NEH.012.002 noAmariya, noMaluki, noHatushe,
12:3b.NEH.012.003 noShekaniya, noRehum, noMeremoti,
12:4b.NEH.012.004 noIdo, noGinetohi, noAbhiya,
12:5b.NEH.012.005 noMiyamin, noMahadiya, noBhilega,
12:6b.NEH.012.006 noShemaya, noYoyaribhi, noYedaya,
12:7b.NEH.012.007 noSalu, noAmoki, noHilekiya, noYedaya. Abo ibiziintloko zababingeleli nabazalwana babo, emihleni kaYeshuwa.
12:8b.NEH.012.008 AbaLevi: ibinguYeshuwa, noBhinwi, noKademiyeli, noSherebhiya, noYuda, noMataniya obephethe imibulelo, yena nabazalwana bakhe;
12:9b.NEH.012.009 noBhakebhukiya, noUni; abazalwana babo babemalunga nabo besezigxineni.
12:10b.NEH.012.010 Ke uYeshuwa wazala uYoyakim; uYoyakim wazala uEliyashibhi; uEliyashibhi wazala uYoyada;
12:11b.NEH.012.011 uYoyada wazala uYonatan; uYonatan wazala uYaduwa.
12:12b.NEH.012.012 Ke emihleni kaYoyakim bekukho ababingeleli abaziintloko zezindlu zooyise: okaSeraya inguMeraya; okaYeremiya inguHananiya;
12:13b.NEH.012.013 okaEzra inguMeshulam; oka-Amariya inguYohanan;
12:14b.NEH.012.014 okaMeliku inguYonatan; okaShebhaniya inguYosefu;
12:15b.NEH.012.015 okaHarim inguAdena; okaMerayoti inguHelekayi;
12:16b.NEH.012.016 okaIdo inguZekariya; okaGineton inguMeshulam;
12:17b.NEH.012.017 oka-Abhiya inguZikri; okaMinyamin, okaMowadiya inguPiletayi;
12:18b.NEH.012.018 okaBhilega inguShamuwa; okaShemaya inguYonatan;
12:19b.NEH.012.019 okaYoyaribhi inguMatenayi; okaYedaya ingu-Uzi;
12:20b.NEH.012.020 okaSalayi inguKalayi; oka-Amoki inguEbhere;
12:21b.NEH.012.021 okaHilekiya inguHashabhiya; okaYedaya inguNataniyeli.
12:22b.NEH.012.022 Malunga nabaLevi, ngemihla kaEliyashibhi, noYoyada, noYohanan, noYaduwa, kwabhalwa iintloko zezindlu zooyise; nezababingeleli, ebukumkanini bukaDariyo umPersi.
12:23b.NEH.012.023 Oonyana bakaLevi, iintloko zezindlu zooyise, babebhalwa encwadini yemicimbi yemihla, kwada kweza nasemihleni kaYohanan unyana kaEliyashibhi.
12:24b.NEH.012.024 Ke iintloko zabaLevi: ibinguHashabhiya, noSherebhiya, noYeshuwa unyana kaKademiyeli, nabazalwana babo malungana nabo, ukuba badumise, babulele, ngokomthetho kaDavide umfo wakwaThixo, iqela lilunge neqela;
12:25b.NEH.012.025 inguMataniya, noBhakebhukiya, no-Obhadiya, noMeshulam, noTalemon, noAkubhi babengabamasango, begcina isigxina koovimba bamasango.
12:26b.NEH.012.026 Abo babekho emihleni kaYoyakim unyana kaYeshuwa, unyana kaYotsadaki, nasemihleni kaNehemiya ibamba, noEzra umbingeleli, umbhali.
12:27b.NEH.012.027 Ke kaloku ekusungulweni kodonga lweYerusalem kwafunwa abaLevi ezindaweni zabo zonke, ukuba baziswe eYerusalem, ukuba ukusungulwa kwalo kwenziwe ngovuyo, nangemibulelo, nangeengoma, nangamacangci, nangemirhubhe, nangeehadi.
12:28b.NEH.012.028 Bahlanganisana oonyana beemvumi, bevela kuloo mmandla ujikeleze iYerusalem, nasemizini yamaNetofa;
12:29b.NEH.012.029 naseBhete yaseGiligali, nasemihlabeni yaseGebha, neAzemavete; ngokuba iimvumi zazizakhele imizi ejikeleze iYerusalem.
12:30b.NEH.012.030 Bazihlambulula ababingeleli nabaLevi, bahlambulula abantu, namasango, nodonga olo.
12:31b.NEH.012.031 Ndabanyusa abathetheli bakwaYuda phezu kodonga, ndamisa amaqela amakhulu amabini okubulela, enza imityino, elinye lasinga ekunene phezu kodonga esangweni lenkunkuma.
12:32b.NEH.012.032 Emva kwalo kwahamba uHoshaya nesiqingatha sabathetheli bakwaYuda,
12:33b.NEH.012.033 noAzariya, noEzra, noMeshulam,
12:34b.NEH.012.034 noYuda, noBhenjamin, noShemaya, noYeremiya.
12:35b.NEH.012.035 Koonyana bababingeleli benamaxilongo yayinguZekariya unyana kaYonatan, unyana kaShemaya, unyana kaMataniya, unyana kaMikaya, unyana kaZakure, unyana ka-Asafu;
12:36b.NEH.012.036 nabazalwana bakhe: ooShemaya, noAzareli, noMilalayi, noGilalayi, noMahayi, noNataniyeli, noYuda, noHanani, beneempahla zokuvuma zikaDavide umfo wakwaThixo; ke uEzra umbhali ebephambi kwabo.
12:37b.NEH.012.037 Basinga esangweni lomthombo, bathi ngqo, benyuka ngezinyuko zomzi kaDavide, ekunyukeni kodonga bayongamela indlu kaDavide, besa esangweni lamanzi ngasempumalanga.
12:38b.NEH.012.038 Iqela lesibini lokubulela elahamba malunga nelo, ndingasemva kwalo, ndinesinye isiqingatha sabantu, lahamba phezu kodonga, layongamela inqaba ende yamaziko, lesa eludongeni olubanzi;
12:39b.NEH.012.039 lasongamela isango lakwaEfrayim, nesango lodonga oludala, nesango leentlanzi, nenqaba ende kaHananeli, nenqaba ende kaHameha, lada leza esangweni lempahla emfutshane, bamisa esangweni lentolongo.
12:40b.NEH.012.040 Ema ke omabini amaqela okubulela endlwini kaThixo, mna ndinesiqingatha sabaphathi;
12:41b.NEH.012.041 nababingeleli, ooEliyakim, noMahaseya, noMinyamin, noMikaya, noEliyohenayi, noZekariya, noHananiya, benamaxilongo;
12:42b.NEH.012.042 noMahaseya, noShemaya, noEleyazare, noUzi, noYohanan, noMalekiya, noElam, noEzere. Iimvumi zavuma kakhulu, uYezeraya engumphathi wazo.
12:43b.NEH.012.043 Babingelela ngaloo mini imibingelelo emikhulu, bavuya; ngokuba uThixo ubebavuyisile ngovuyo olukhulu. Kananjalo abafazi nabantwana bavuya; kwavakala ukuvuya kweYerusalem namgama.
12:44b.NEH.012.044 Ngaloo mini kwamiswa amadoda okuphatha amagumbi okubangoovimba bemirhumo, neentlahlela, nezishumi, ukuba zifunjwe kuwo, ngokwemihlaba yemizi, izabelo ezimiselwe ababingeleli nabaLevi ngomyalelo; ngokuba amaYuda abevuya ngababingeleli nangabaLevi abemiyo.
12:45b.NEH.012.045 Basigcina isigxina sikaThixo wabo, nesigxina sentlambululo; zenjenjalo iimvumi nabamasango, ngokomthetho kaDavide, noSolomon unyana wakhe;
12:46b.NEH.012.046 ngokuba ngemihla kaDavide, kwakudala, uAsafu ubeyintloko yeemvumi, neyokudumisa uThixo, neyokubulela kuye.
12:47b.NEH.012.047 Onke amaSirayeli, ngemihla kaZerubhabheli nangemihla kaNehemiya, abe ezinika iimvumi nabamasango izabelo, into yemini ngangemini yayo, engcwalisela abaLevi, abaLevi bengcwalisela oonyana baka-Aron.
13
13:1b.NEH.013.001 Ngaloo mini kwaleswa encwadini kaMoses ezindlebeni zabantu; kwafunyanwa kubhaliwe kuyo ukuthi, Ama-Amon namaMowabhi makangangeni ebandleni likaThixo naphakade;
13:2b.NEH.013.002 ngokuba engabakhawulelanga oonyana bakaSirayeli enesonka namanzi; esuka abaqeshela uBhileham, ukuba abaqalekise; ke uThixo wethu wayiguqula ingqalekiso yaba yintsikelelo.
13:3b.NEH.013.003 Kwathi bakuva umyalelo lowo, bawahlula wonke umxube kumaSirayeli.
13:4b.NEH.013.004 Ke kaloku phambi koko, uEliyashibhi umbingeleli, obemiswe phezu kwamagumbi endlu kaThixo wethu, wazalamanisa noTobhiya,
13:5b.NEH.013.005 wamenzela igumbi elikhulu, apho bekufudula kubekwa khona umnikelo wokudla, nentlaka emhlophe, nempahla, nezishumi zengqolowa, nezewayini entsha, nezeoli, ezibe zimiselwe abaLevi neemvumi nabamasango; nemirhumo yababingeleli.
13:6b.NEH.013.006 Ekwenzekeni oko konke bendingekho eYerusalem; ngokuba, ngomnyaka wamashumi amathathu anesibini ka-Artashashta ukumkani waseBhabheli, ndaya kukumkani ekupheleni kwemihla, ndacela kukumkani ukuba ndibuye.
13:7b.NEH.013.007 Ndafika ke eYerusalem, ndabugqala ububi abebenzile uEliyashibhi ngenxa kaTobhiya, ngokumenzela kwakhe igumbi ezintendelezweni zendlu kaThixo.
13:8b.NEH.013.008 Kwaba kubi kum kakhulu; ndazilahlela phandle zonke iimpahla zendlu kaTobhiya ngaphandle kwegumbi.
13:9b.NEH.013.009 Ndatsho, bawahlambulula amagumbi; ndazibuyisela khona iimpahla zendlu kaThixo, umnikelo wokudla, nentlaka emhlophe.
13:10b.NEH.013.010 Ndazi ukuba izabelo zabaLevi abazinikwanga; ngokuba abaLevi neemvumi, ababesebenza umsebenzi, babebalekele elowo emhlabeni wakhe.
13:11b.NEH.013.011 Ndabambana nabaphathi, ndathi, Yini na ukuba indlu kaThixo ishiywe nje? Ndababutha, ndabamisa esikhundleni sabo.
13:12b.NEH.013.012 Aza onke amaYuda azisa izishumi zengqolowa, nezewayini entsha, nezeoli, koovimba.
13:13b.NEH.013.013 Ndamisa phezu koovimba uShelemiya umbingeleli, noTsadoki umbhali, noPedaya kubaLevi; naphantsi kwezandla zabo yanguHanan unyana kaZakure, unyana kaMataniya; ngokuba bekusithiwa banyanisekile; bamiselwa ukwabela abazalwana babo.
13:14b.NEH.013.014 Ndikhumbule, Thixo wam, ngenxa yoko; musa ukuzicima iinceba zam, endizenzileyo endlwini kaThixo wam, nasezigxineni zayo.
13:15b.NEH.013.015 Ngaloo mihla ndabona kwaYuda abaxovula ezixovulelweni zewayini ngesabatha, nabathutha amasinde, abathwalisa amaesile; kwanewayini, neediliya, namakhiwane, nemithwalo yonke, beyizisa eYerusalem ngemini yesabatha; ndaqononondisa ngaloo mini bathengisa ngokudla ngayo.
13:16b.NEH.013.016 Kwakuhleli khona nabaseTire, bezise iintlanzi neento zonke zentengiso; bethengisa ngesabatha koonyana bakaYuda eYerusalem.
13:17b.NEH.013.017 Ndabambana nabanumzana bakwaYuda, ndathi kubo, Yintoni na le nto imbi kangaka niyenzayo, niwuhlambelayo umhla wesabatha?
13:18b.NEH.013.018 Babengenjenalo na ooyihlo, waza uThixo wethu wasifikisela thina nalo mzi bonke obo bubi? Ke nina nongeza ukuvutha komsindo kuSirayeli, niyihlambela nje isabatha.
13:19b.NEH.013.019 Bekusithi, kwakuba lungcwalazi phakathi kwamasango aseYerusalem phambi kwesabatha, ndithi mazivalwe iingcango; ndithi mazingavulwa ide igqithe isabatha. Ndamisa inxenye yamadodana akwam emasangweni, ukuze kungangeniswa mthwalo ngemini yesabatha.
13:20b.NEH.013.020 Abarhwebi, nabathengisa ngeento zonke zentengiso, babelala ngaphandle kweYerusalem kanye nokuba kukabini.
13:21b.NEH.013.021 Ndaqononondisa kubo, ndathi kubo, Yini na ukuba nilale phambi kodonga? Ukuba nithe naphinda, ndonisa isandla. Kususela kwelo xesha ababanga seza ngesabetha.
13:22b.NEH.013.022 Ndathi kubaLevi mabazihlambulule, beze bagcine amasango, ukuze kungcwaliswe umhla wesabatha. Ndikhumbulele nangale nto, Thixo wam, ube nenceba kum ngokobuninzi benceba yakho.
13:23b.NEH.013.023 Kananjalo ngaloo mihla ndawabona amaYuda abezeke abafazi abangama-Ashdodekazi, nama-Amonikazi, namaMowabhikazi,
13:24b.NEH.013.024 oonyana babo inxenye bethetha ngesiAshdode, bengenakuqonda ukuthetha ngesiYuda, bethetha ngokwentetho yezizwe ngezizwe.
13:25b.NEH.013.025 Ndabambana nawo, ndawatshabhisa, ndabetha amadoda kuwo, ndawadlathula iinwele, ndawafungisa uThixo ngokuthi, Inene, iintombi zenu aniyi kuzendisela koonyana babo, neentombi zabo aniyi kuzizekela oonyana benu, aniyi kuzizeka nani ngokwenu.
13:26b.NEH.013.026 Wayengone ngenxa yabo yini na uSolomon, ukumkani wamaSirayeli? Ezintlangeni ezininzi kwakungekho kumkani unjengaye: ubethandwa nguThixo wakhe, uThixo wamnika ukuba ngukumkani wamaSirayeli onke; naye lowo bamonisa abafazi bezinye iintlanga.
13:27b.NEH.013.027 Makuvakale ngani na, ukuba nenze bonke obu bubi bukhulu, bokwenza ubumenemene kuThixo wethu, ngokuzeka abafazi bezinye iintlanga?
13:28b.NEH.013.028 Ke kaloku koonyana bakaYoyada, unyana kaEliyashibhi, umbingeleli omkhulu, bekukho kubo ongumyeni kwaSanebhalati waseHoron; ndamgxotha ke kum.
13:29b.NEH.013.029 Bakhumbule, Thixo wam, ngenxa yokuhlambela kwabo ububingeleli, nomnqophiso wobubingeleli, nowobuLevi.
13:30b.NEH.013.030 Ndawahlambuluka ke ezintweni zonke zezinye iintlanga, ndazimisa izigxina zababingeleli nezabaLevi, zomntu ngomntu emsebenzini wakhe,
13:31b.NEH.013.031 nezomsondezo weenkuni ngamaxesha amisiweyo, nezeentlahlela. Ndikhumbulele okulungileyo, Thixo wam.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Nehemiah (Xhosa). Nehemiah (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3A3-3