1 Chronicles (Xhosa)

1 Chronicles (Xhosa)

1

1:1b.1CH.001.001 UAdam, uSete, uEnoshe,

1:2b.1CH.001.002 uKenan, uMahalaleli, uYerede,

1:3b.1CH.001.003 uEnoki, uMetusela, uLameki,

1:4b.1CH.001.004 uNowa, uShem, uHam, uYafete.

1:5b.1CH.001.005 Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noYavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi.

1:6b.1CH.001.006 Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noDifati, noTogarma.

1:7b.1CH.001.007 Oonyana bakaYavan nguElisha noTarshishe, ngamaKiti, namaDodan.

1:8b.1CH.001.008 Oonyana bakaHam nguKushi, noMitserayim, noPuti, noKanan.

1:9b.1CH.001.009 Oonyana bakaKushi nguSebha, noHavila, noSabheta, noRama, noSabheteka. Oonyana bakaRama nguShebha noDedan.

1:10b.1CH.001.010 UKushi wazala uNimrodi, yena waqala waba ligorha emhlabeni.

1:11b.1CH.001.011 UMitserayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,

1:12b.1CH.001.012 namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti, namaKafetori.

1:13b.1CH.001.013 UKanan wazala uTsidon owamazibulo kuye, noHeti,

1:14b.1CH.001.014 namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,

1:15b.1CH.001.015 namaHivi, nama-Areki, namaSini,

1:16b.1CH.001.016 nama-Arvadi, namaTsemari, namaHamati.

1:17b.1CH.001.017 Oonyana bakaShem nguElan, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram, noUtse, noHuli, noGetere, noMesheki.

1:18b.1CH.001.018 UArpakishadi wazala uShela; uShela wazala uEbhere.

1:19b.1CH.001.019 UEbhere wazalelwa oonyana ababini, igama lomnye nguPelege, ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi bomhlaba; igama lomninawa wakhe belinguYoketan.

1:20b.1CH.001.020 UYoketan wazala uAlemodadi, noShelefe, noHatsaremavete, noYera,

1:21b.1CH.001.021 noHadoram, noUzali, noDikela,

1:22b.1CH.001.022 noEbhali, noAbhimayeli, noShebha,

1:23b.1CH.001.023 no-Ofire, noHavila, noYobhabhi. Bonke abo ngoonyana bakaYoketan.

1:24b.1CH.001.024 UShem, uArpakishadi, uShela,

1:25b.1CH.001.025 uEbhere, uPelege, uRehu,

1:26b.1CH.001.026 uSerugi, uNahore, uTera,

1:27b.1CH.001.027 uAbram (nguAbraham ke lowo).

1:28b.1CH.001.028 Oonyana baka-Abraham nguIsake noIshmayeli.

1:29b.1CH.001.029 Zizo ezi iinzala zabo: owamazibulo kuIshmayeli nguNebhayoti, noKedare, noAdebhele, noMibhesam,

1:30b.1CH.001.030 uMishama, noDuma, uMasa, uHadade, noTema, uYeture, uNafishi, noKedema. Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli.

1:31b.1CH.001.031 Oonyana bakaKetura, ishweshwe lika-Abraham: wazala uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshbhaki, noShuwa.

1:32b.1CH.001.032 Oonyana bakaYokeshan nguShebha noDedan.

1:33b.1CH.001.033 Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.

1:34b.1CH.001.034 UAbraham wazala uIsake. Oonyana bakaIsake nguEsawu noSirayeli.

1:35b.1CH.001.035 Oonyana bakaEsawu nguElifazi, noRehuweli, noYehushe, noYalam, noKora.

1:36b.1CH.001.036 Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefi, noGatam, noKenazi, noTimna, noAmaleki.

1:37b.1CH.001.037 Oonyana bakaRehuweli ngooNahati, noZera, noShama, noMiza.

1:38b.1CH.001.038 Oonyana bakaSehira nguLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna, noDishon, noEtsere, noDishan.

1:39b.1CH.001.039 Oonyana bakaLotan ngamaHori, noHonam; udade boLotan nguTimna.

1:40b.1CH.001.040 Oonyana bakaShobhali nguAleyan, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaTsibheyon nguAya noAna.

1:41b.1CH.001.041 Oonyana baka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan noItran noKeran.

1:42b.1CH.001.042 Oonyana bakaEtsere nguBhilehan noZavan noYakan. Oonyana bakaDishan ngu-Utse noAran.

1:43b.1CH.001.043 Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani ubelawula oonyana bakaSirayeli; nguBhela unyana kaBhehore; igama lomzi wakhe liyiDinabha.

1:44b.1CH.001.044 Wafa uBhela; uYobhabhi unyana kaZera, waseBhotsera, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

1:45b.1CH.001.045 Wafa uYobhabhi; uHusham, wasezweni lamaTeman, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

1:46b.1CH.001.046 Wafa uHusham; uHadadi unyana kaBhedadi, owaxabela amaMidiyan emhlabeni wakwaMowabhi, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiAviti.

1:47b.1CH.001.047 Wafa uHadadi; uSamla waseMasereka waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

1:48b.1CH.001.048 Wafa uSamla; uSawule, waseRehobhoti yoMlambo, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

1:49b.1CH.001.049 Wafa uSawule; uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

1:50b.1CH.001.050 Wafa uBhahali-hanan; uHadadi waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiPahi; igama lomkakhe belinguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.

1:51b.1CH.001.051 Wafa uHadadi. Izikhulu zakwaEdom zezi: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAliya, isikhulu esinguYetete,

1:52b.1CH.001.052 isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla, isikhulu esinguPinon,

1:53b.1CH.001.053 isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguTeman, isikhulu esinguMibhetsare,

1:54b.1CH.001.054 isikhulu esinguMagediyeli, isikhulu esinguIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom.

2

2:1b.1CH.002.001 Ngabo aba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon,

2:2b.1CH.002.002 noDan, noYosefu, noBhenjamin, noNafetali, noGadi, noAshere.

2:3b.1CH.002.003 Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela. Abo bathathu wabazalelwa yintombi kaShuwa, umKananekazi. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ebenobubi emehlweni kaYehova; wambulala.

2:4b.1CH.002.004 UTamare, umolokazana wakhe, wamzalela uPeretse noZera. Bebonke oonyana bakaYuda bahlanu.

2:5b.1CH.002.005 Oonyana bakaPeretse nguHetseron, noHamuli.

2:6b.1CH.002.006 Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHaman, noKalekole, noDara; bebonke bahlanu.

2:7b.1CH.002.007 Oonyana bakaKarmi nguAkare, owawahlisela ishwangusha amaSirayeli, wenza ubumenemene entweni esingelwe phantsi.

2:8b.1CH.002.008 Oonyana bakaEtan nguAzariya.

2:9b.1CH.002.009 Oonyana bakaHetseron awabazalelwayo: nguYerameli, noRam, noKelubhayi.

2:10b.1CH.002.010 URam wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yoonyana bakaYuda.

2:11b.1CH.002.011 UNashon wazala uSalima;

2:12b.1CH.002.012 uSalima wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhede; uObhede wazala uYese.

2:13b.1CH.002.013 UYese wazala uEliyabhi, amazibulo akhe, noAbhinadabhi owesibini, noShama owesithathu,

2:14b.1CH.002.014 noNataniyeli owesine, noRadayi owesihlanu,

2:15b.1CH.002.015 no-Otsem owesithandathu, noDavide owesixhenxe.

2:16b.1CH.002.016 Oodade babo baye bengooTseruya noAbhigali. Oonyana bakaTseruya nguAbhishayi, noYowabhi, noAsaheli; bathathu.

2:17b.1CH.002.017 UAbhigali wazala uAmasa; uyise ka-Amasa ebenguYetere, umIshmayeli.

2:18b.1CH.002.018 UKalebhi, unyana kaHetseron, wazala ngoAzubha umkakhe nangoYerihoti. Ngabo aba oonyana bakhe: uYeshere, noShobhabhi, noArdon.

2:19b.1CH.002.019 Wafa uAzubha; uKalebhi wazeka uEfrata; wamzalela uHuri.

2:20b.1CH.002.020 UHuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhetsaleli.

2:21b.1CH.002.021 Emveni koko wayingena uHetseron intombi kaMakire, uyise kaGiliyadi, wayizeka eminyaka imashumi mathandathu ezelwe; yamzalela uSegubhi.

2:22b.1CH.002.022 USegubhi wazala uYahire; wayenemizi engamashumi amabini anamithathu ezweni laseGiliyadi.

2:23b.1CH.002.023 UGeshuri noAram bathabatha kubo iHavoti-yahire, neKenati, namagxamesi ayo: imizi engamashumi omathandathu. Bonke aba babengoonyana bakaMakire, uyise kaGiliyadi.

2:24b.1CH.002.024 Emva kokufa kukaHetseron kwaKalebhi yakwaEfrata, umkaHetseron, uAbhiya, wamzalela uAsuri, uyise ozala amaTekowa.

2:25b.1CH.002.025 Oonyana bakaYerameli, amazibulo kaHetseron, babengooRam amazibulo akhe, noBhuna, no-Oren, no-Otsem, noAhiya.

2:26b.1CH.002.026 UYerameli ebenomnye umfazi, igama lakhe linguAtara; ubengunina kaOnam.

2:27b.1CH.002.027 Oonyana bakaRam, amazibulo kaYerameli, babenguMahatse, noYamin, noEkere.

2:28b.1CH.002.028 Oonyana bakaOnam babenguShamayi, noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi, noAbhishure.

2:29b.1CH.002.029 Igama lomka-Abhishure nguAbhihayili; wamzalela uAbhan, noMolidi.

2:30b.1CH.002.030 Oonyana bakaNadabhi nguSelede, noApayim; wafa uSelede engazalanga.

2:31b.1CH.002.031 Oonyana baka-Apayim nguIshi. Oonyana bakaIshi nguSheshan. Oonyana bakaSheshan nguAlayi.

2:32b.1CH.002.032 Oonyana bakaYada, umninawa kaShamayi, nguYetere noYonatan. Wafa uYetere engazalanga.

2:33b.1CH.002.033 Oonyana bakaYonatan nguPelete noZaza. Ngabo abo oonyana bakaYerameli.

2:34b.1CH.002.034 USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. USheshan ebenomkhonzi ongumYiputa; igama lakhe belinguYar-ha.

2:35b.1CH.002.035 USheshan wamnika uYar-ha umkhonzi wakhe intombi yakhe, ukuba ibe ngumfazi; yamzalela uAtayi.

2:36b.1CH.002.036 UAtayi wazala uNatan; uNatan wazala uZabhadi.

2:37b.1CH.002.037 UZabhadi wazala uEfelali; uEfelali wazala uObhede;

2:38b.1CH.002.038 uObhede wazala uYehu; uYehu wazala uAzariya;

2:39b.1CH.002.039 uAzariya wazala uHeletse; uHeletse wazala uElasa;

2:40b.1CH.002.040 uElasa wazala uSisamayi; uSisamayi wazala uShalum;

2:41b.1CH.002.041 uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama.

2:42b.1CH.002.042 Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron.

2:43b.1CH.002.043 Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.

2:44b.1CH.002.044 UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekem wazala uShamayi.

2:45b.1CH.002.045 Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure.

2:46b.1CH.002.046 UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze.

2:47b.1CH.002.047 Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe.

2:48b.1CH.002.048 UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana;

2:49b.1CH.002.049 wazala noShahafe, uyise wabaseMademana, noSheva uyise wabaseMakebhena, noyise wabaseGibheha; intombi kaKalebhi ibinguAkesa.

2:50b.1CH.002.050 Ngabo aba oonyana bakaKalebhi: ngoonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata; uShobhali ozala amaKiriyati-yeharim;

2:51b.1CH.002.051 uSalima, uyise wabaseBhetelehem; uHarefe, uyise wabaseBhete-gadere.

2:52b.1CH.002.052 UShobhali, uyise wabaseKiriyati-yeharim, ebenoonyana: uHarowe, noHatsihamenukoti.

2:53b.1CH.002.053 Imizalwane yaseKiriyati-yeharim ngamaItri, namaPuti, namaShumati, namaMisherayi. Baphuma kuyo abaseTsorati, namaEshtawoli.

2:54b.1CH.002.054 Oonyana bakaSalima ngabaseBhetelehem, nabaseNetofa, abaseAteroti yendlu kaYowabhi, nabaseHazi-hamanati, nabaseTsora.

2:55b.1CH.002.055 Imizalwane yababhali, abemi baseYabhetse, ngabaseTira, ngabaseShemiha, ngabaseSuka. La ngamaKeni avela kuHamati, uyise wabendlu kaRekabhi.

3

3:1b.1CH.003.001 Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele;

3:2b.1CH.003.002 owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesine nguAdoniya unyana kaHagiti;

3:3b.1CH.003.003 owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe.

3:4b.1CH.003.004 Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.

3:5b.1CH.003.005 Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobane, ngoBhateshuwa intombika-Amiyeli;

3:6b.1CH.003.006 nguIbhehare, noElishama, noElifelete,

3:7b.1CH.003.007 noNoga, noNefege, noYafiya,

3:8b.1CH.003.008 noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.

3:9b.1CH.003.009 Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; nodade wabo ibinguTamare.

3:10b.1CH.003.010 Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;

3:11b.1CH.003.011 nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;

3:12b.1CH.003.012 nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;

3:13b.1CH.003.013 nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe;

3:14b.1CH.003.014 nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.

3:15b.1CH.003.015 Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesine.

3:16b.1CH.003.016 Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe.

3:17b.1CH.003.017 Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe,

3:18b.1CH.003.018 noMalekiram, noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.

3:19b.1CH.003.019 Oonyana bakaPedaya ngooZerubhabheli noShimehi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benoShelomiti udade wabo;

3:20b.1CH.003.020 noHashubha, no-Oheli, noBherekiya, noHasadiya, noYushabhi-hesede; bahlanu.

3:21b.1CH.003.021 Oonyana bakaHananiya ngooPelatiya noYesaya; oonyana bakaRefaya; oonyana baka-Arnan; oonyana bakaObhadiya; oonyana bakaShekaniya.

3:22b.1CH.003.022 Oonyana bakaShekaniya nguShemaya; oonyana bakaShemaya ngooHatushe, noIgali, noBhariya, noNeyariya, noShafati; bathandathu.

3:23b.1CH.003.023 Oonyana bakaNeyariya ngooEliyohenayi, noHezekiya, noAzerikam; bathuthu.

3:24b.1CH.003.024 Oonyana bakaEliyohenayi ngooHodaya, noEliyashibhi, noPelaya, noAkubhi, noYohanan, noDelaya, noAnani; basixhenxe.

4

4:1b.1CH.004.001 Oonyana bakaYuda nguPeretse, noHetseron, noKarmi, noHuri, noShobhali.

4:2b.1CH.004.002 URehaya, unyana kaShobhali, wazala uYahati; uYahati wazala uAhumayi noLahadi. Yiyo le imizalwane yabaseTsora.

4:3b.1CH.004.003 Yiyo le eyazala amaEtam: nguYezereli, noIshma, noIdebhashe; igama lodade wabo belinguHatseleleponi;

4:4b.1CH.004.004 noPenuweli ozala amaGedore, noEzere ozala amaHusha. Ngabo abo oonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata, ozala amaBhetelehem.

4:5b.1CH.004.005 UAshuri, ozala amaTekowa, ebena bafazi ababini, uHela noNahara.

4:6b.1CH.004.006 UNahara wamzalela uAhuzam, noHefere, namaTemeni, namaHahashtari. Ngabo abo oonyana bakaNahara.

4:7b.1CH.004.007 Oonyana bakaHela nguTserete, noYetsohare, noEtenan.

4:8b.1CH.004.008 UKotsi wazala uAnubhi, noTsobhebha; nemizalwane ka-Aharele, unyana kaHarum.

4:9b.1CH.004.009 Ke kaloku uYabhetse ebezukile kunabazalwana bakhe. Unina wamthiya igama lokuba nguYabhetse, esithi, Ndimzele ngokubulaleka.

4:10b.1CH.004.010 UYabhetse wamnqula uThixo wakwaSirayeli, wathi, Ngamana wandisikelela, wawandisa ummandla wam, isandla sakho saba nam, wandithintela ebubini, ukuze ndingabulaleki. UThixo wamenzela loo nto wayicelayo.

4:11b.1CH.004.011 UKelubhi, umkhuluwa kaShuwa, wazala uMehire, onguyise kaEshton.

4:12b.1CH.004.012 UEshton wazala indlu kaRafa, noPaseha, noTehina, ozala umzi kaNahashe. Ngawo lawo amadoda akwaReka.

4:13b.1CH.004.013 Oonyana bakaKenazi: uOteniyeli noSeraya; oonyana bakaOteniyeli nguHatati noMehonotayi.

4:14b.1CH.004.014 UMehonotayi wazala uOfera; uSeraya wazala uYowabhi, ozala ooGeharashim, ngokuba bebeziingcibi.

4:15b.1CH.004.015 Oonyana bakaKalebhi, unyana kaYefune, ngooIru, noEla, noNaham; oonyana bakaEla; nabakaKenazi.

4:16b.1CH.004.016 Oonyana bakaYehaleleli ngooZifi noZifa, ngooTireya noAsareli.

4:17b.1CH.004.017 Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. Wazala uMiriyam, noShamayi, noIshbha, ozala amaEshtemowa.

4:18b.1CH.004.018 Umkakhe uYehudiya wazala uYerede, ozala amaGedore; noHebhere, ozala amaSoko; noYekutiyeli, ozala amaZanowa. Ngabo abo oonyana bakaBhitya, intombi kaFaro, awayizekayo uMerede.

4:19b.1CH.004.019 Oonyana bomkakhe uHodiya, udade boNaham: ngozala amaKehila, umGarmi; nozala amaEshtemowa, umMahaka.

4:20b.1CH.004.020 Oonyana bakaShimon ngooAmnon noRina, ngooBhen-hanan noTilon. Oonyana bakaIshi ngooZohete noBhen-zohete.

4:21b.1CH.004.021 Oonyana bakaShela, unyana kaYuda, ngooEre ozala amaLeka, noLada ozala amaMaresha, nemizalwane yendlu yabasebenza ilinen ecikizekileyo, yendlu ka-Ashbheya;

4:22b.1CH.004.022 noYokim, namadoda aseKozebha, noYowashe, noSarafe (aba bazizikhulu kwaMowabhi), noYashubhi-lehem. Ke ezo zinto zezakudala.

4:23b.1CH.004.023 Ngabo abo ababumbi nabemi baseNetayim neGedera; bahlala khona nokumkani emsebenzini wakhe.

4:24b.1CH.004.024 Oonyana bakaSimon nguNemuweli, noYamin, noYaribhi, nguZera noSawule,

4:25b.1CH.004.025 nguShalum unyana wakhe, nguMibhesam unyana wakhe, nguMishma unyana wakhe.

4:26b.1CH.004.026 Oonyana bakaMishma nguHamuweli unyana wakhe, nguZakure unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe.

4:27b.1CH.004.027 UShimehi ubenoonyana abalishumi elinabathandathu, neentombi ezintandathu; abazalwana bakhe ababanga nabantwana baninzi; wonke umzalwane wabo awandanga njengonyana bakaYuda.

4:28b.1CH.004.028 Bahlala eBher-shebha, naseMolada, naseHatsare-shuwali,

4:29b.1CH.004.029 naseBhileha, nase-Etsem, naseToladi,

4:30b.1CH.004.030 naseBhetuweli, naseHorma, naseTsikelage,

4:31b.1CH.004.031 naseBhete-markabhoti, naseHatsarsusim, naseBhete-bhiri, naseShaharayim. Yabiyiyo leyo imizi yabo, wada uDavide waba ngukumkani.

4:32b.1CH.004.032 Nemizi yabo yiEtam neAyin, yiRimon neToken neAshan: izixeko ezihlanu;

4:33b.1CH.004.033 nemizana yonke ebeyiyiphahlile loo mizi, kwesa kwaBhahali. Zizo ezo iindawo zokuhlala kwabo, benokubhalelwa emilibeni yokuzalwa kwabo.

4:34b.1CH.004.034 UMeshobhabhi, noYamleki, noYosha unyana ka-Amatsiya,

4:35b.1CH.004.035 noYoweli, noYehu unyana kaYoshibhiya, unyana kaSeraya, unyana ka-Asiyeli,

4:36b.1CH.004.036 noEliyohenayi, noYahakobha, noYeshohaya, noAsaya, noAdiyeli, noYesimiyeli, noBhenaya;

4:37b.1CH.004.037 noZiza unyana kaShifi, unyana ka-Alon, unyana kaYedaya, unyana kaShimri, unyana kaShemaya:

4:38b.1CH.004.038 abo bakhankanyiweyo ngamagama ababezizikhulu emizalwaneni yabo. Izindlu zooyise zanaba kunene.

4:39b.1CH.004.039 Baya entshonalanga kweGedore, bezisa empumalanga komfula, beyifunela utyani impahla yabo emfutshane.

4:40b.1CH.004.040 Bafumana utyani bukhulile, bubuhle; ilizwe libanzi ngeenxa zombini, lizolile, lonwabile; ngokuba abakaHam babemi khona kudala.

4:41b.1CH.004.041 Beza abo babhaliweyo amagama ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, bazixhaxha iintente zabo, bawasingela phantsi namaMehun abawafumana khona, unanamhla. Bahlala ezikhundleni zabo; ngokuba bekukho utyani bempahla yabo emfutshane khona.

4:42b.1CH.004.042 Kwaphuma kubo, koonyana bakaSimon abo, kwaya entabeni yaseSehire, amadoda angamakhulu amahlanu, ephethwe ngooPelatiya, noNehariya, noRefaya, noUziyeli, oonyana bakaIshi.

4:43b.1CH.004.043 Baxabela amaqongqolo ama-Amaleki abesindile; bahlala khona unanamhla.

5

5:1b.1CH.005.001 Oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli (ngokuba ibinguye owamazibulo; ke ngokuwuhlambela kwakhe umandlalo kayise, ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaYosefu unyana kaSirayeli, akaba nakubhalwa emilibeni yokuzalwa ukuba ngowamazibulo;

5:2b.1CH.005.002 ngokuba uYuda waba ligorha phakathi kwabazalwana bakhe, yaphuma kuye inganga; ke bona ubuzibulo bebubobukaYosefu):

5:3b.1CH.005.003 oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, nguEnoki, noFalu, nguHetseron, noKarmi.

5:4b.1CH.005.004 Oonyana bakaYoweli nguShemaya unyana wakhe, nguGogi unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe,

5:5b.1CH.005.005 nguMika unyana wakhe, nguRehaya unyana wakhe, nguBhahali unyana wakhe,

5:6b.1CH.005.006 nguBhehera unyana wakhe, owafuduswa nguTigelate-pilenezere, ukumkani waseAsiriya; nguye obesisikhulu samaRubhen.

5:7b.1CH.005.007 Abazalwana bakhe, elowo ngokwemizalwane yakhe, ekubhalweni emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo: iintloko ibingooYehiyeli noZekariya,

5:8b.1CH.005.008 noBhela unyana ka-Azazi, unyana kaShema, unyana kaYoweli, obehleli eArohere, wesa eNebho naseBhahali-mehon.

5:9b.1CH.005.009 Wahlala ngasempumalanga, wesa entlango ethabathela emlanjeni ongumEfrati; ngokuba imfuyo yabo yayandile ezweni laseGiliyadi.

5:10b.1CH.005.010 Ngemihla kaSawule benza imfazwe namaHagari; awela esandleni sabo. Bahlala ezintenteni zawo, ngecala lasempumalanga lonke laseGiliyadi.

5:11b.1CH.005.011 Ke kaloku oonyana bakaGadi bahlala malungana nabo ezweni laseBhashan, besa eSaleka;

5:12b.1CH.005.012 nguYoweli intloko, noShafam onganeno, noYanayi, noShafati eBhashan.

5:13b.1CH.005.013 Nabazalwana babo bendlu yooyise ngooMikayeli, noMeshulam, noShebha, noYorayi, noYakan, noZiya, noEbhere; basixhenxe abo.

5:14b.1CH.005.014 Ngabo aba oonyana baka-Abhihayili, unyana kaHuri, unyana kaYarowa, unyana kaGiliyadi, unyana kaMikayeli, unyana kaYeshishayi, unyana kaYado, unyana kaBhuzi:

5:15b.1CH.005.015 uAhi unyana ka-Abhediyeli, unyana kaGuni, intloko yendlu yooyise.

5:16b.1CH.005.016 Bahlala eGiliyadi naseBhashan, nasemagxamesini ayo, nasemadlelweni onke aseSharon, kwesa ekupheleni kwawo.

5:17b.1CH.005.017 Bonke abo babhalwa emilibeni yokuzalwa ngemihla kaYotam ukumkani wakwaYuda, nangemihla kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli.

5:18b.1CH.005.018 Oonyana bakaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, kumakroti, amadoda anokuphatha ingweletshetshe nekrele, nokugoba isaphetha, afundiswe ukulwa, ngamashumi amane anesine amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci amathandathu, abephuma umkhosi.

5:19b.1CH.005.019 Benza imfazwe namaHagari, noYeture, noNafishe, noNodabhi.

5:20b.1CH.005.020 Bancediswa kuwo, amaHagari anikelwa esandleni sabo, nabo bonke abebenawo. Ngokuba balila kuThixo ekulweni, wathandazeka ngabo; ngokuba babekholose ngaye.

5:21b.1CH.005.021 Bayithimba imfuyo yawo, iinkamela zawo amashumi omahlanu amawaka, nempahla emfutshane amakhulu omabini anamanci mahlanu amawaka, namaesile amawaka amabini, abantu belikhulu lamawaka.

5:22b.1CH.005.022 Ngokuba kwawa babaninzi ababuleweyo; ngokuba yayiphuma kuThixo imfazwe leyo. Bahlala ezikhundleni zabo, bada bathinjwa.

5:23b.1CH.005.023 Ke kaloku oonyana besiqingatha sesizwe sakwaManase bahlala kwelo zwe; bathabathela eBhashan, besa eBhahali-hermon, naseSenire, nasentabeni yeHermon, ukuba baninzi kwabo.

5:24b.1CH.005.024 Zizo ezi iintloko zezindlu zooyise: noEfere, noIshi, noEliyeli, noAzeriyeli, noYeremiya, noHodaviya, noYadiyeli, amadoda angamagorha anobukroti, amadoda anegama, iintloko zezindlu zooyise.

5:25b.1CH.005.025 Bameneza kuThixo wooyise, bahenyuza ngokulandela oothixo bezizwe zelo zwe, awazitshabalalisayo uThixo phambi kwabo.

5:26b.1CH.005.026 UThixo kaSirayeli wawuxhokonxa umoya kaPuli, ukumkani waseAsiriya, nomoya kaTigelate-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wawafudusa amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, wabasa eHala, naseHabhore, naseHara, nasemlanjeni oyiGozan, unanamhla.

6

6:1b.1CH.006.001 Oonyana bakaLevi nguGershon, noKehati, noMerari.

6:2b.1CH.006.002 Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli.

6:3b.1CH.006.003 Abantwana baka-Amram ngooAron, noMoses, noMiriyam. Oonyana baka-Aron ngooNadabhi, noAbhihu, nguElazare, noItamare.

6:4b.1CH.006.004 UElazare wazala uPinehasi, uPinehasi wazala uAbhishuwa;

6:5b.1CH.006.005 uAbhishuwa wazala uBhuki; uBhuki wazala u-Uzi;

6:6b.1CH.006.006 u-Uzi wazala uZeraya; uZeraya wazala uMerayoti;

6:7b.1CH.006.007 uMerayoti wazala uAmariya; uAmariya wazala uAhitobhi;

6:8b.1CH.006.008 uAhitobhi wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uAhimahatse;

6:9b.1CH.006.009 uAhimahatse wazala uAzariya; uAzariya wazala uYohanan;

6:10b.1CH.006.010 uYohanan wazala uAzariya, (yena ke ebengumbingeleli endlwini awayakhayo uSolomon eYerusalem);

6:11b.1CH.006.011 uAzariya wazala uAmariya; uAmariya wazala uAhitubhi;

6:12b.1CH.006.012 uAhitubhi wazala uTsadoki uTsadoki wazala uShalum;

6:13b.1CH.006.013 uShalum wazala uHilekiya; uHilekiya wazala uAzariya;

6:14b.1CH.006.014 uAzariya wazala uSeraya; uSeraya wazala uYotsadaki;

6:15b.1CH.006.015 uYotsadaki wahamba, akuwafudusa uYehova amaYuda neYerusalem ngoNebhukadenetsare.

6:16b.1CH.006.016 Oonyana bakaLevi nguGershom, noKehati, noMerari.

6:17b.1CH.006.017 Ngawo la amagama oonyana bakaGershom: nguLibheni noShimehi.

6:18b.1CH.006.018 Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli.

6:19b.1CH.006.019 Oonyana bakaMerari nguMaheli noMushi. Yiyo ke leyo imizalwane kaLevi, ngokwezindlu zooyise.

6:20b.1CH.006.020 KuGershom: nguLibheni unyana wakhe, nguYahati unyana wakhe, nguZima unyana wakhe,

6:21b.1CH.006.021 nguYowa unyana wakhe, nguIdo unyana wakhe, nguZera unyana wakhe, nguYehatrayi unyana wakhe.

6:22b.1CH.006.022 Oonyana bakaKehati nguAminadabhi unyana wakhe, nguKora unyana wakhe, nguAsire unyana wakhe,

6:23b.1CH.006.023 nguElikana unyana wakhe, noEbhiyasefu unyana wakhe, noAsire unyana wakhe,

6:24b.1CH.006.024 nguTahati unyana wakhe, ngu-Uriyeli unyana wakhe, ngu-Uziya unyana wakhe, nguSawule unyana wakhe.

6:25b.1CH.006.025 Oonyana bakaElikana nguAmasayi noAhimoti.

6:26b.1CH.006.026 KuElikana: oonyana bakaElikana nguTsofayi unyana wakhe, noNahati unyana wakhe,

6:27b.1CH.006.027 nguEliyabhi unyana wakhe, nguYoram unyana wakhe, nguElikana unyana wakhe.

6:28b.1CH.006.028 Oonyana bakaSamuweli nguVashni amazibulo akhe, noAbhiya.

6:29b.1CH.006.029 Oonyana bakaMerari nguMaheli, nguLibheni unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe, ngu-Uza unyana wakhe,

6:30b.1CH.006.030 nguShimeha unyana wakhe, nguHagiya unyana wakhe, nguAsaya unyana wakhe.

6:31b.1CH.006.031 Aba ngabo wabaphathisayo uDavide ingoma endlwini kaYehova, kususela koko yaphumlayo ityeya.

6:32b.1CH.006.032 Balungiselela ngengoma phambi komnquba oyintente yokuhlangana, wada uSolomon wayakha indlu kaYehova eYerusalem; bema ngokwesiko labo enkonzweni yabo.

6:33b.1CH.006.033 Aba ngabo bema noonyana babo. Kubo oonyana bakaKehati nguHeman imvumi, unyana kaYoweli, unyana kaShemuweli,

6:34b.1CH.006.034 unyana kaElikana, unyana kaYeroham, unyana kaEliyeli, unyana kaToha,

6:35b.1CH.006.035 unyana kaTsufi, unyana kaElikana, unyana kaMahati, unyana ka-Amasayi,

6:36b.1CH.006.036 unyana kaElikana, unyana kaYoweli, unyana ka-Azariya, unyana kaZefaniya,

6:37b.1CH.006.037 unyana kaTahati, unyana ka-Asire, unyana ka-Abhiyasefu, unyana kaKora,

6:38b.1CH.006.038 unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli.

6:39b.1CH.006.039 Ke umzalwana wakhe uAsafu wema ngasekunene kwakhe: uAsafu unyana kaBherekiya, unyana kaShimeha,

6:40b.1CH.006.040 unyana kaMikayeli, unyana kaBhahaseya, unyana kaMalekiya,

6:41b.1CH.006.041 unyana kaEteni, unyana kaZera, unyana ka-Adaya,

6:42b.1CH.006.042 unyana kaEtan, unyana kaZima, unyana kaShimehi,

6:43b.1CH.006.043 unyana kaYahati, unyana kaGershom, unyana kaLevi.

6:44b.1CH.006.044 Abazalwana babo, oonyana bakaMerari, bema ngasekhohlo: uEtan unyana kaKishi, unyana ka-Abhedi, unyana kaMuluki,

6:45b.1CH.006.045 unyana kaHashabhiya, unyana ka-Amatsiya, unyana kaHilekiya,

6:46b.1CH.006.046 unyana ka-Amtsi, unyana kaBhani, unyana kaShemere,

6:47b.1CH.006.047 unyana kaMaheli, unyana kaMushi, unyana kaMerari, unyana kaLevi.

6:48b.1CH.006.048 Abazalwana babo, abaLevi, babemiselwe umsebenzi wonke womnquba wendlu kaThixo.

6:49b.1CH.006.049 Ke uAron noonyana bakhe babeqhumisela esibingelelweni sedini elinyukayo, nasesibingelelweni sesiqhumiso, bengabomsebenzi wonke wengcwele kangcwele, bacamagushele amaSirayeli, ngokoko konke wawisa umthetho ngako uMoses, umkhonzi kaThixo.

6:50b.1CH.006.050 Ngabo aba oonyana baka-Aron: nguElazare unyana wakhe, nguPinehasi unyana wakhe, nguAbhishuwa unyana wakhe,

6:51b.1CH.006.051 nguBhuki unyana wakhe, ngu-Uzi unyana wakhe, nguZeraya unyana wakhe,

6:52b.1CH.006.052 nguMerayoti unyana wakhe, nguAmariya unyana wakhe, nguAhitubhi unyana wakhe,

6:53b.1CH.006.053 nguTsadoki unyana wakhe, nguAhimahatse unyana wakhe.

6:54b.1CH.006.054 Ngawo la amakhaya abo ngokweengqili zabo, emideni yabo, ezoonyana baka-Aron, ngokwemizalwane kaKehati; ngokuba laba lelabo iqashiso:

6:55b.1CH.006.055 babanika owaseHebron ezweni lakwaYuda, namadlelo awo ngeenxa zonke;

6:56b.1CH.006.056 ke wona amasimi omzi lowo nemizana yawo bawanika uKalebhi, unyana kaYefune.

6:57b.1CH.006.057 Babanika oonyana baka-Aron imizi yokusabela: owaseHebron, neLibhena namadlelo ayo, neYatire, ne-Eshtemowa; namadlelo ayo,

6:58b.1CH.006.058 neHilen namadlelo ayo, neDebhire namadlelo ayo,

6:59b.1CH.006.059 neAshan namadlelo ayo, neBhete-shemeshe namadlelo ayo.

6:60b.1CH.006.060 Esizweni sakwaBhenjamin: iGebha namadlelo ayo, neAlemete namadlelo ayo, neAnatoti namadlelo ayo. Yonke imizi yabo ngokwemizalwane yabo yabe iyimizi elishumi elinamithathu.

6:61b.1CH.006.061 Oonyana bakaKehati abaseleyo banikwa emzalwaneni wesizwe sakwaEfrayim, nasesizweni sakwaDan, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase, ngeqashiso imizi elishumi.

6:62b.1CH.006.062 Oonyana bakaGershom ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaIsakare, nasesizweni sakwa-Ashere, nasesizweni sakwaNafetali, nasesizweni sakwaManase eBhashan, imizi yalishumi elinamithathu.

6:63b.1CH.006.063 Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaRubhen, nasesizweni sakwaGadi, nasesizweni sakwaZebhulon, ngeqashiso imizi elishumi elinamibini.

6:64b.1CH.006.064 Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi imizi namadlelo ayo.

6:65b.1CH.006.065 Babanika ngeqashiso esizweni soonyana bakaYuda, nasesizweni soonyana bakaSimon, nasesizweni soonyana bakaBhenjamin, yona le mizi ibiziweyo ngamagama ayo.

6:66b.1CH.006.066 Ke emizalwaneni yoonyana bakaKehati kwabakho imizi yemida yabo esizweni sakwaEfrayim.

6:67b.1CH.006.067 Babanika imizi yokusabela: owakwaShekem namadlelo awo ezintabeni zakwaEfrayim, neGezere namadlelo ayo,

6:68b.1CH.006.068 neYokemeham namadlelo ayo, neBhete-horon namadlelo ayo;

6:69b.1CH.006.069 neAyalon namadlelo ayo, neGati-rimon namadlelo ayo;

6:70b.1CH.006.070 nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase: iAnere namadlelo ayo, neBhileham namadlelo ayo, ngokomzalwane woonyana bakaKehati abaseleyo.

6:71b.1CH.006.071 Oonyana bakaGershom banikwa emzalwaneni wesiqingatha sesizwe sakwaManase: iGolan yaseBhashan namadlelo ayo, neAshtaroti namadlelo ayo;

6:72b.1CH.006.072 nasesizweni sakwaIsakare: iKedeshe namadlelo ayo, neDabherati namadlelo ayo,

6:73b.1CH.006.073 neRamoti namadlelo ayo, neAnem namadlelo ayo;

6:74b.1CH.006.074 nasesizweni sakwa-Ashere: iMashale namadlelo ayo, neAbhedon namadlelo ayo,

6:75b.1CH.006.075 neHukoki namadlelo ayo, neRehobhi namadlelo ayo;

6:76b.1CH.006.076 nasesizweni sakwaNafetali: iKedeshe yaseGalili namadlelo ayo, neHamon namadlelo ayo, neKiriyatayim namadlelo ayo.

6:77b.1CH.006.077 Abaseleyo kubaLevi koonyana bakaMerari banikwa esizweni sakwaZebhulon: iRimono namadlelo ayo, neTabhore namadlelo ayo;

6:78b.1CH.006.078 naphesheya kweYordan ngaseYeriko, ngasempumalanga kweYordan esizweni sakwaRubhen: iBhetsere esentlango namadlelo ayo, neYatsa namandlelo ayo,

6:79b.1CH.006.079 neKedemoti namadlelo ayo, neMefahata namadlelo ayo;

6:80b.1CH.006.080 nasesizweni sakwaGadi: iRamoti yaseGiliyadi namadlelo ayo, neMahanayim namadlelo ayo,

6:81b.1CH.006.081 neHeshbhon namadlelo ayo, neYazere namadlelo ayo.

7

7:1b.1CH.007.001 Oonyana bakaIsakare nguTola, noPuwa, noYashubhi, noShimron; babebane.

7:2b.1CH.007.002 Oonyana bakaTola ngu-Uzi, noRefaya, noYeriyeli, noYamayi, noIbhesam, noSamuweli, iintloko zezindlu zooyise zikaTola; amagorha anobukroti, ngokweenzala zawo. Inani lawo ngemihla kaDavide laba ngamashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu amathandathu.

7:3b.1CH.007.003 Oonyana bakaUzi nguIzerahiya. Noonyana bakaIzerahiya nguMikayeli, no-Obhadiya, noYoweli, noIshiya; babebahlanu, beziintloko bonke.

7:4b.1CH.007.004 Ndawonye nabo ngokweenzala zabo, ngokwezindlu zooyise, kwakukho izimpi zomkhosi wokulwa, amashumi amathathu anamathandathu amawaka; ngokuba babenabafazi noonyana abaninzi.

7:5b.1CH.007.005 Abazalwana babo, ngokwemizalwane yonke yakwaIsakare, amagorha anobukroti, baye bengamashumi asibhozo anesixhenxe amawaka, ukubhalwa kwabo emilibeni yabo yokuzalwa bebonke.

7:6b.1CH.007.006 Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noYedihayeli; bebebathathu.

7:7b.1CH.007.007 Oonyana bakaBhela nguEtsebhon, noUzi, noUziyeli, noYerimoti, noIri; baye bebahlanu, iintloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti; ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa babengamashumi amabini anamabini amawaka, anamanci mathathu anesine.

7:8b.1CH.007.008 Oonyana bakaBhekere nguZemira, noYowashe, noEliyezere, noEliyohenayi, no-Omri, noYeremoti, noAbhiya, noAnatoti, noAlamete; bonke abo ngoonyana bakaBhekere;

7:9b.1CH.007.009 ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo zeentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, babengamashumi amabini amawaka, anamakhulu amabini.

7:10b.1CH.007.010 Oonyana bakaYedihayeli nguBhilehan. Oonyana bakaBhilehan nguYehushe, noBhenjamin, noEhudi, noKenahana, noZetan, noTarshishe, noAhishahare.

7:11b.1CH.007.011 Bonke abo babengoonyana bakaYedihayeli, ngokweentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, alishumi elinesixhenxe lamawaka, anamakhulu mabini, aphuma umkhosi aye kulwa.

7:12b.1CH.007.012 OoShupim noHupim ngoonyana bakaIre; ooHushim ngoonyana baka-Ahere.

7:13b.1CH.007.013 Oonyana bakaNafetali nguYatsiyeli, noGuni, noYetsere, noShalum, oonyana bakaBhiliha.

7:14b.1CH.007.014 Oonyana bakaManase nguAsheriyeli, awamzalelwayo. Ishweshwe lakhe, umAramikazi, lazala uMakire, uyise kaGiliyadi.

7:15b.1CH.007.015 UMakire wazeka udade booHupim noShupim; igama lodade wabo belinguMahaka; igama lowesibini belinguTselofehadi; ke uTselofehadi ubeneentombi.

7:16b.1CH.007.016 UMahaka umkaMakire wazala unyana, wathi igama lakhe nguPereshe; igama lomninawa wakhe belinguShereshe; oonyana bakhe ngu-Ulam noRekem.

7:17b.1CH.007.017 Oonyana bakaUlam nguBhedan. Ngabo abo oonyana bakaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase.

7:18b.1CH.007.018 Udade wabo, uHamolekete, wazala uIshodi, noAbhihezere, noMahala.

7:19b.1CH.007.019 Oonyana bakaShemida babengooAhiyan, noShekem, noLiki, noAniyam.

7:20b.1CH.007.020 Oonyana bakaEfrayim nguShutela, noBherede unyana wakhe, noTahati, unyana wakhe, noEliyada unyana wakhe, noTahati unyana wakhe,

7:21b.1CH.007.021 noZabhadi unyana wakhe, noShutela unyana wakhe, noEzere, noEladi; abababulalayo abantu bakwaGati, ababezalelwe kwelo zwe; ngokuba babehle beza kuthabatha imihlambi yabo.

7:22b.1CH.007.022 Wenza isijwili uEfrayim, uyise, imihla emininzi, beza kumkhuza abazalwana bakhe.

7:23b.1CH.007.023 Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya; ngokuba bekuhle ububi endlwini yakhe.

7:24b.1CH.007.024 Intombi yakhe ibinguShera; yayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, neUzen-shera.

7:25b.1CH.007.025 URefa ebengunyana wakhe, noReshefe; uTela ngunyana wakhe, noTahan unyana wakhe,

7:26b.1CH.007.026 uLadan unyana wakhe, uAmihudi unyana wakhe, uElishama unyana wakhe,

7:27b.1CH.007.027 uNun unyana wakhe, uYoshuwa unyana wakhe.

7:28b.1CH.007.028 Ke kaloku ilifa labo, namakhaya abo, yiBheteli namagxamesi ayo; ngasempumalanga yiNaharan; ngasentshonalanga yiGezere namagxamesi ayo, nowakwaShekem namagxamesi awo, kwesa eGaza namagxamesi ayo.

7:29b.1CH.007.029 Esezandleni zoonyana bakaManase yiBhete-shehan namagxamesi ayo, yiTahanaki namagxamesi ayo, yiMegido namagxamesi ayo, yiDore namagxamesi ayo. Kulapho kwakumi oonyana bakaYosefu, unyana kaSirayeli.

7:30b.1CH.007.030 Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshevi, noBheriya, noSera udade wabo.

7:31b.1CH.007.031 Oonyana bakaBheriya nguHebhere, noMalekiyeli, onguyise kaBhirzaviti.

7:32b.1CH.007.032 UHebhere wazala uYafelete, noShomere, noHotam, noShuwa udade wabo.

7:33b.1CH.007.033 Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimhali, noAshevati. Ngabo abo oonyana bakaYafelete.

7:34b.1CH.007.034 Oonyana bakaShemere nguAhi, noRoga, noYehubha, noAram.

7:35b.1CH.007.035 Oonyana bakaHelem umzalwana wakhe nguTsofa, noImna, noSheleshe, noAmali.

7:36b.1CH.007.036 Oonyana bakaTsofa nguSuwa, noHarenefere, noShuwali, noBheri, noImra,

7:37b.1CH.007.037 nguBhetsere noHodi, noShama, noShilesha, noItran, noBhehera.

7:38b.1CH.007.038 Oonyana bakaYetere nguYefune, noPisepa, noAra.

7:39b.1CH.007.039 Oonyana bakaUla nguAra, noHaniyeli, noRitsiya.

7:40b.1CH.007.040 Bonke abo babengoonyana baka-Ashere: iintloko zezindlu zooyise, amagorha ahleliweyo anobukroti, iintloko zezikhulu. Ukubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa kwasemkhosini, ukuba balwe, babengamadoda angamashumi omabini anamathandathu amawaka, inani lawo.

8

8:1b.1CH.008.001 UBhenjamin wazala uBhela amazi bulo akhe, noAshebhele owesibini, noAhara owesithathu,

8:2b.1CH.008.002 uNoha owesine, noRafa owesihlanu.

8:3b.1CH.008.003 Oonyana bakaBhela babengooAdare, noGera, noAbhihudi,

8:4b.1CH.008.004 noAbhishuwa, noNahaman, noAhowa,

8:5b.1CH.008.005 noGera, noShefufan, noHuram.

8:6b.1CH.008.006 Ngabo abo oonyana bakaEhudi, abo baziintloko zezindlu zooyise kubemi baseGebha; babafudusela eManahati:

8:7b.1CH.008.007 nguNahaman, noAhiya, noGera, owabafudusayo; uEhudi wazala u-Uza noAhihudi.

8:8b.1CH.008.008 UShaharayim wazala emhlabeni wakwaMowabhi emveni kokubandulula wakhe ooHushim noBhahara, abafazi bakhe;

8:9b.1CH.008.009 wazala ngoHodeshe umkakhe: uYobhabhi, noTsibheya, noMesha, noMalekom,

8:10b.1CH.008.010 noYehutse, noShakiya, noMirma. Ngabo abo oonyana bakhe, iintloko zezindlu zooyise.

8:11b.1CH.008.011 NgoHushim wazala uAbhitubhi noEliphahali.

8:12b.1CH.008.012 Oonyana bakaElipahali: nguEbhere, noMisham, noShemere, owayakhayo iOno, neLodi namagxamesi ayo.

8:13b.1CH.008.013 NgooBheriya noShema abaziintloko zezindlu zooyise kubemi baseAyalon, abagxotha abemi baseGati.

8:14b.1CH.008.014 OoAhiyo, noShashaki, noYeremoti,

8:15b.1CH.008.015 noZebhadiya, noAradi, noEdere,

8:16b.1CH.008.016 noMikayeli, noIshpa, noYoha babengoonyana bakaBheriya.

8:17b.1CH.008.017 OoZebhadiya, noMeshulam, noHizeki, noHebhere,

8:18b.1CH.008.018 noIshmerayi, noYeziliya, noYobhabi babengoonyana bakaElepahali.

8:19b.1CH.008.019 OoYakim, noZikri, noZabhedi.

8:20b.1CH.008.020 noElihenayi, noTsiletayi, noEliyeli,

8:21b.1CH.008.021 noAdaya, noBheraya, noShimrati babengoonyana bakaShimehi.

8:22b.1CH.008.022 OoIshpan, noEbhere, noEliyeli,

8:23b.1CH.008.023 noAbhedon, noZikri, noHanan,

8:24b.1CH.008.024 noHananiya, noElam, noAntotiya,

8:25b.1CH.008.025 noIfediya, noPenuweli babengoonyana bakaShashaki.

8:26b.1CH.008.026 OoShamesherayi, noShehariya, noAtaliya,

8:27b.1CH.008.027 noYareshiya, noEliya, noZikri babengoonyana bakaYeroham.

8:28b.1CH.008.028 Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise ngokweenzala zazo; ziintloko ke ezo; ezo zahlala eYerusalem.

8:29b.1CH.008.029 EGibheyon kwahlala ozala amaGibheyon, uYehiyeli; igama lomkakhe belinguMahaka.

8:30b.1CH.008.030 NguAbhedon unyana wakhe wamazibulo, noTsure, noKishe, noBhahali, noNadabhi,

8:31b.1CH.008.031 noGedore, noAhiyo, noZekere.

8:32b.1CH.008.032 UMikeloti wazala uShimeha. Nabo bahlala eYerusalem nabazalwana babo, malungana nabazalwana babo.

8:33b.1CH.008.033 UNere wazala uKishe; uKishe wazala uSawule; uSawule wazala uYonatan, noMalekishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhahali.

8:34b.1CH.008.034 Unyana kaYonatan nguMeribhi-bhahali; uMeribhi-bhahali wazala uMika.

8:35b.1CH.008.035 Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi.

8:36b.1CH.008.036 UAhazi wazala uYehowada; uYehowada wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri; uZimri wazala uMotsa;

8:37b.1CH.008.037 uMotsa wazala uBhineha. NguRafa unyana wakhe, nguElehasa unyana wakhe, nguAtsele unyana wakhe.

8:38b.1CH.008.038 UAtsele ebenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo; nguAzerikam, nguBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Bonke abo babengoonyana baka-Atsele.

8:39b.1CH.008.039 Oonyana bakaEsheki, umzalwana wakhe, ngu-Ulam amazibulo akhe, nguYehushe owesibini, nguElifelete owesithathu.

8:40b.1CH.008.040 Oonyana bakaUlam babengamadoda angamagorha anobukroti, abagoba isaphetha; babenoonyana abaninzi, noonyana boonyana, ikhulu elinamanci mahlanu. Bonke abo babengaboonyana bakaBhenjamin.

9

9:1b.1CH.009.001 Onke ke amaSirayeli abhalwa emilibeni yokuzalwa: nango ke ebhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli. AmaYuda athinjwa, asiwa eBhabheli ngenxa yokumeneza kwawo.

9:2b.1CH.009.002 Abemi bokuqala, ababesemafeni abo emizini yabo, babengamaSirayeli, ababingeleli, nabaLevi, nabasebenza etempileni.

9:3b.1CH.009.003 EYerusalem kwahlala aboonyana bakaYuda, naboonyana bakaBhenjamin, naboonyana booEfrayim noManase:

9:4b.1CH.009.004 ngu-Utayi, unyana ka-Amihudi, unyana kaOmri, unyana kaImri, unyana kaBhani, koonyana bakaPeretse, unyana kaYuda.

9:5b.1CH.009.005 NakumaShilo: nguAzaya amazibulo akhe, noonyana bakhe.

9:6b.1CH.009.006 Koonyana bakaZera nguYehuweli nabazalwana bakhe: amakhulu amathandathu anamanci asithoba.

9:7b.1CH.009.007 Koonyana bakaBhenjamin: nguSalu unyana kaMeshulam, unyana kaHodafiya, unyana kaHasenuwa,

9:8b.1CH.009.008 noIbheneya unyana kaYeroham, noEla unyana kaUzi, unyana kaMikri, noMeshulam unyana kaShefatiya, unyana kaRehuweli, unyana kaIbheniya;

9:9b.1CH.009.009 nabazalwana babo ngokweenzala zabo: amakhulu asithoba anamanci mahlanu anabathandathu. Onke loo madoda abeziintloko zezindlu zooyise ezindlwini zooyise.

9:10b.1CH.009.010 Kubabingeleli: nguYedaya, noYehoyaribhi, noYakin,

9:11b.1CH.009.011 noAzariya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, inganga yendlu kaThixo;

9:12b.1CH.009.012 noAdaya, unyana kaYeroham, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya; noMahasayi unyana ka-Adiyeli, unyana kaYazera, unyana kaMeshulam, unyana; kaMeshilemiti, unyana kaImere;

9:13b.1CH.009.013 nabazalwana babo, iintloko zezindlu zooyise, iwaka elinamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu amagorha anobukroti ekuwusebenzeni umsebenzi wendlu kaThixo.

9:14b.1CH.009.014 KubaLevi: nguShemaya, unyana kaHashubhi, unyana ka-Azerikam, unyana kaHashabhiya koonyana bakaMerari;

9:15b.1CH.009.015 nguBhakebhakare, noHereshe, noGalali; noMataniya unyana kaMika, unyana kaZikri, unyana ka-Asafu;

9:16b.1CH.009.016 no-Obhadiya, unyana kaShemaya, unyana kaGalali, unyana kaYedutun; noBherekiya unyana ka-Asa, unyana kaElikana, obehleli emizaneni yamaNetofa.

9:17b.1CH.009.017 Abamasango: nguShalum, noAkubhi, noTalemon, noAhiman, nabazalwana babo; intloko inguShalum;

9:18b.1CH.009.018 kude kwaba namhla esesangweni lokumkani empumalanga. Ngabo abo abamasango eminqubeni yoonyana bakaLevi.

9:19b.1CH.009.019 UShalum, unyana kaKore, unyana kaEbhiyasafu, unyana kaKora, nabazalwana bakhe ngokwendlu yooyise, amaKora, ayephethe umsebenzi wenkonzo, engabagcini beminyango yentente. Nooyise bawo babephethe iminquba kaYehova, begcina isango.

9:20b.1CH.009.020 UPinehasi, unyana kaElazare, waye eyinganga yabo ngenxa engaphambili; uYehova wayenaye.

9:21b.1CH.009.021 UZekariya unyana kaMeshelemiya wayengowesango ekungeneni kwentente yokuhlangana.

9:22b.1CH.009.022 Bonke bephela, behleliwe ukuba babe ngabagcini bamasango, babengamakhulu amabini, anashumi-nye linababini. Bona babebhalwe emilibeni yabo yokuzalwa emizaneni yabo. Bona bamiswa nguDavide noSamuweli imboni, ngokunyaniseka kwabo.

9:23b.1CH.009.023 Bona abo noonyana babo babesemasangweni endlu kaYehova, endlu yentente, ngokokugcina.

9:24b.1CH.009.024 Babekho abamasango ngamacala omane, ngasempumalanga, ngasentshonalanga, ngasentla, nangasezantsi.

9:25b.1CH.009.025 Abazalwana babo emizaneni yabo babengabokuza ngomhla wesixhenxe amaxesha ngamaxesha kunye nabo.

9:26b.1CH.009.026 Ngokuba abaLevi abo, abaphathi abakhulu abane ababengabamasango, babephethe amagumbi nobuncwane bendlu kaThixo benyanisile.

9:27b.1CH.009.027 Ukulala, babeyijikeleza indlu kaThixo; ngokuba ukugcina bekukokwabo, kunabo ukuyivula imiso ngemiso.

9:28b.1CH.009.028 Kubo bekukho abaphethe iimpahla zenkonzo; ngokuba babezingenisa ngenani, bazikhuphe ngenani.

9:29b.1CH.009.029 Kubo bekukho abamiselwe phezu kwempahla, naphezu kwempahla yonke engcwele, naphezu komgubo ocoliweyo, newayini, neoli, nentlaka emhlophe, nobulawu.

9:30b.1CH.009.030 Koonyana bababingeleli bekukho abacola ubuqholo bobulawu.

9:31b.1CH.009.031 UMatitiya, omnye wakubaLevi, obengowamazibulo kaShalum umKora, ubephethe enyanisekile umsebenzi wokosa ngeepani.

9:32b.1CH.009.032 Koonyana bakaKehati, kubazalwana babo, bekukho ababephethe izonka ezikroziswayo, ukuzilungisa iisabatha ngeesabatha.

9:33b.1CH.009.033 Zizo ezo iimvumi, iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ezibe zihleli emagumbini zikhululekile; ngokuba beziphethe umsebenzi imini nobusuku.

9:34b.1CH.009.034 Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ziziintloko ngokweenzala zazo, ezo zahlala eYerusalem.

9:35b.1CH.009.035 EGibheyon kwakuhleli ozala amaGibheyon, uYehiyeli; igama lomkakhe belinguMahaka.

9:36b.1CH.009.036 Unyana wakhe wamazibulo nguAbhedon, yanguTsure, noKishe, noBhahali, noNere, noNadabhi,

9:37b.1CH.009.037 noGedore, noAhiyo, noZekariya, noMikeloti.

9:38b.1CH.009.038 UMikeloti wazala uShimeham. Kwanabo bahlala nabazalwana babo eYerusalem, malunga nabazalwana babo.

9:39b.1CH.009.039 UNere wazala uKishe; uKishe wazala uSawule; uSawule wazala uYonatan, noMalekishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhahali.

9:40b.1CH.009.040 Unyana kaYonatan nguMeribhi-bhahali; uMeribhi-bhahali wazala uMika.

9:41b.1CH.009.041 Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi.

9:42b.1CH.009.042 UAhazi wazala uYara; uYara wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri; uZimri wazala uMotsa.

9:43b.1CH.009.043 UMotsa wazala uBhineha, noRefaya unyana wakhe, uElehasa unyana wakhe, uAtsele unyana wakhe.

9:44b.1CH.009.044 UAtsele ubenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo: nguAzerikam, noBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Ngabo abo oonyana baka-Atsele.

10

10:1b.1CH.010.001 Ke kaloku amaFilisti alwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa engxwelerhiwe ezintabeni zaseGilibhowa.

10:2b.1CH.010.002 AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe. AmaFilisti ambulala uYonatan, noAbhinadabhi, noMalekishuwa, oonyana bakaSawule.

10:3b.1CH.010.003 Yanzima imfazwe kuSawule. Bamfumana abatoli, wathuthumela ngenxa yabatoli.

10:4b.1CH.010.004 Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze beze aba bangalukileyo, bafekethe ngam. Akavuma umphathi weentonga zakhe, ngokuba ubesoyika kakhulu. Walithabatha uSawule ikrele, waziwisa phezu kwalo.

10:5b.1CH.010.005 Uthe umphathi weentonga zakhe, akubona ukuba ufile uSawule, waziwisa naye phezu kwekrele lakhe, wafa.

10:6b.1CH.010.006 Wafa ke uSawule, noonyana bakhe abathathu, nendlu yakhe yonke; bafa kunye.

10:7b.1CH.010.007 Athi onke amadoda akwaSirayeli abesentilini leyo, akubona ukuba kusatyiwe, ukuba ufile uSawule noonyana bakhe, ayilahla imizi yawo, asaba; eza ke amaFilisti, ahlala kuyo.

10:8b.1CH.010.008 Kwathi ngengomso, amaFilisti eza kubhunyula ababuleweyo, amfumana uSawule noonyana bakhe bewile ezintabeni zaseGilibhowa.

10:9b.1CH.010.009 Ambhunyula, ayisusa intloko yakhe neentonga zakhe, athumela ezweni lamaFilisti ngeenxa zonke, ukuba aluxele olu daba lumnandi kwizithixo zabo nasebantwini.

10:10b.1CH.010.010 Azibeka iintonga zakhe endlwini yezithixo zawo, ukakayi lwakhe alubethelela endlwini kaDagon.

10:11b.1CH.010.011 Beva bonke abaseYabheshe yaseGiliyadi konke awakwenzayo amaFilisti kuSawule,

10:12b.1CH.010.012 esuka onke amadoda anobukroti, asithwala isidumbu sikaSawule nezidumbu zoonyana bakhe, azizisa eYabheshe. Awangcwaba amathambo abo phantsi komterebhinti eYabheshe, azila ukudla imihla yasixhenxe.

10:13b.1CH.010.013 Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye,

10:14b.1CH.010.014 akaquqela kuYehova; wambulala ke, wabuguqulela ubukumkani kuDavide unyana kaYese.

11

11:1b.1CH.011.001 Abuthelana ke onke amaSirayeli kuDavide eHebron, athi, Uyabona, silithambo lakho, siyinyama yakho;

11:2b.1CH.011.002 kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani, ibinguwe obuphuma ungena namaSirayeli; wathi uYehova uThixo wakho kuwe, Wena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli; wena uya kuba yinganga yabantu bam amaSirayeli.

11:3b.1CH.011.003 Afika onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron, wenza umnqophiso nawo uDavide eHebron, phambi koYehova; amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani kumaSirayeli, ngokwelizwi likaYehova ngesandla sikaSamuweli.

11:4b.1CH.011.004 Wahamba uDavide namaSirayeli onke, waya eYerusalem (yiYebhusi ke leyo), apho abekhona amaYebhusi, abemi belo zwe.

11:5b.1CH.011.005 Bathi abemi beYebhusi kuDavide, Akusayi kungena apha. Wayithimba uDavide imboniselo yeZiyon (ngumzi kaDavide ke lowo).

11:6b.1CH.011.006 Wathi uDavide, Owaxabele amaYebhusi kwasentloko, woba yintloko nomthetheli. Wenyuka kwasentloko uYowabhi unyana kaTseruya, waba yintloko ke.

11:7b.1CH.011.007 UDavide wahlala emboniselweni apho; ngenxa yoko bathi ngumzi kaDavide.

11:8b.1CH.011.008 Wawakha umzi, wajikelezisa ngeenxa zonke, wathabathela eMilo, wajikelezisa. UYowabhi wawasindisa amaqongqolo aloo mzi.

11:9b.1CH.011.009 UDavide waya eba mkhulu ngokuba mkhulu; uYehova wemikhosi ubenaye.

11:10b.1CH.011.010 Zizo ezi iintloko zamagorha abekuDavide, esomelezana naye ebukumkanini bakhe kunye namaSirayeli onke, ukuba amenze ukumkani, ngokwelizwi likaYehova kumaSirayeli.

11:11b.1CH.011.011 Lilo eli inani lamagorha kaDavide: nguYashobheham unyana kaHakimoni, intloko yabaphathi-mikhosi. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, awahlatywayo ngasihlandlo sinye.

11:12b.1CH.011.012 Emva kwakhe nguElazare unyana kaDodo, umAhowa, owayengomnye kumagorha amathathu.

11:13b.1CH.011.013 Yena wayenoDavide ePas-damim; amaFilisti ayebuthelene khona ukuba alwe. Kwakukho khona isiqwenga somhlaba, sinerhasi ichumile; basaba abantu ebusweni bamaFilisti.

11:14b.1CH.011.014 Wesuka yena wamisa esazulwini sesiqwenga eso, wasithimba, yena wawabulala amaFilisti; uYehova wenza ke usindiso olukhulu.

11:15b.1CH.011.015 Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu, saya kuDavide eweni, emqolombeni waseAdulam; yaye impi yamaFilisti imise iintente entilini yamaRafa.

11:16b.1CH.011.016 UDavide oko ubesemboniselweni apho; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.

11:17b.1CH.011.017 Wanqwena uDavide wathi, Akwaba, bethu, bendingasezwa amanzi equla laseBhetelehem elisesangweni!

11:18b.1CH.011.018 Atyhudisa empini yamaFilisti amadoda amathathu lawo, akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ke uDavide ukuwasela; wawathululela phantsi, phambi koYehova,

11:19b.1CH.011.019 wathi, Makube lee kum, Thixo wam, ukwenza oko. Igazi lala madoda, eliyimiphefumlo yawo, ndolisela yini na? ngokuba awazisa encame imiphefumlo yawo. Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.

11:20b.1CH.011.020 UAbhishayi, umninawa kaYowabhi, yena waye eyintloko yamathathu. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, wabinza. Waba negama ke kulawo mathathu.

11:21b.1CH.011.021 Kulawo mathathu wayezukile kunamabini, waba ngumthetheli wawo ke; akafika kodwa kulawa mathathu.

11:22b.1CH.011.022 UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu.

11:23b.1CH.011.023 Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga, ekubhite zintlanu; umYiputa lowo ephethe intshuntshe enjengomthi wabaluki beengubo. Wehla ke waya kuyo ephethe intonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala kwangentshuntshe yakhe.

11:24b.1CH.011.024 Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYoyada; waba negama ke kwisithathu eso samagorha.

11:25b.1CH.011.025 Yabona, wayezukile yena kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafika kwamathathu lawa. UDavide wammisa ephakathini lakhe.

11:26b.1CH.011.026 Amagorha anobukroti ayengooAsaheli, umninawa kaYowabhi; uElihanan, unyana kaDodo, waseBhetelehem;

11:27b.1CH.011.027 uShamoti waseHarodi; uHeletse umPelon;

11:28b.1CH.011.028 uIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; uAbhihezere waseAnatoti;

11:29b.1CH.011.029 uSibhekayi umHusha; uIlayi umAhowa;

11:30b.1CH.011.030 uMaharayi waseNetofa; uHelede unyana kaBhahana, waseNetofa;

11:31b.1CH.011.031 uItayi unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin; uBhenaya wasePiraton;

11:32b.1CH.011.032 uHurayi wasezihlanjeni zaseGahashe; uAbhiyeli waseArabha;

11:33b.1CH.011.033 uAzemavete waseBhaharum; uEliyabha waseShahalebhon;

11:34b.1CH.011.034 uBhene-hashem waseGizon; uYonatan unyana kaShage, umHarari;

11:35b.1CH.011.035 uAhiyam unyana kaSakare, umHarari; uElifali unyana kaUre;

11:36b.1CH.011.036 uHefere umMekera; uAhiya umPelon;

11:37b.1CH.011.037 uHetsero waseKarmele; uNaharayi unyana kaEsebhayi;

11:38b.1CH.011.038 uYoweli umzalwana kaNatan; uMibhehare unyana kaHagri;

11:39b.1CH.011.039 uTseleke umAmon; uNaharayi waseBheroti, umphathi weentonga zikaYowabhi unyana kaTseruya;

11:40b.1CH.011.040 uIra umItri; uGarebhe umItri;

11:41b.1CH.011.041 u-Uriya umHeti; uZabhadi unyana ka-Alayi;

11:42b.1CH.011.042 uAdina unyana kaShiza, umRubhen, intloko yamaRubhen, enamashumi amathathu;

11:43b.1CH.011.043 uHanan unyana kaMahaka; noYoshafati waseMeten;

11:44b.1CH.011.044 u-Uziya waseAshterati; uShama noYehiyeli, oonyana bakaHotam waseArahere;

11:45b.1CH.011.045 uYedihayeli unyana kaShimri, noYoha umzalwana wakhe, umTitsi;

11:46b.1CH.011.046 uEliyeli umMahavi; noYeribhayi noYoshafiya, oonyana bakaElinaham; noItema umMowabhi;

11:47b.1CH.011.047 uEliyeli, no-Obhedi, noYahasiyeli waseMetsobhaya.

12

12:1b.1CH.012.001 Naba, abeza kuDavide eTsikelage, esavingcelekile ngenxa kaSawule unyana kaKishe; bona bekumagorha, bencedisa emfazweni,

12:2b.1CH.012.002 bexhobe izaphetha, besawula ngamatye ngesokunene nangesokhohlo isandla, betola ngeentolo, bengabakubazalwana bakaSawule, bengabakumaBhenjamin.

12:3b.1CH.012.003 Intloko ibinguAhiyezere noYowashe, oonyana bakaShemaha waseGibheha; noYeziyeli noPelete, oonyana baka-Azemavete; noBheraka, noYehu waseAnatoti;

12:4b.1CH.012.004 noIshmaya waseGibheyon, igorha kula mashumi mathathu, elaliphethe amashumi amathathu; noYeremiya, noYahaziyeli, noYohanan, noYozabhadi waseGedere;

12:5b.1CH.012.005 uEluzayi, noYerimoti, noBhehaliya, noShemariya, noShefatiya umHarufi;

12:6b.1CH.012.006 uElikana, noYeshiya, noAzarele, noYohezere, noYashobheham, amaKora;

12:7b.1CH.012.007 noYohela noZebhadiya oonyana bakaYeroham waseGedore.

12:8b.1CH.012.008 KumaGadi awazahlulela ukuya kuDavide emboniselweni, asinga entlango, ngamadoda anobukroti, amadoda omkhosi okulwa, exhobe ikhaka nomkhonto; ubuso bawo bunjengobengonyama, enjengamabhadi asezintabeni ukukhawuleza kwawo.

12:9b.1CH.012.009 NguEzere owokuqala; nguObhadiya owesibini; nguEliyabhi owesithathu;

12:10b.1CH.012.010 nguMishemana owesine; nguYeremiya owesihlanu;

12:11b.1CH.012.011 nguAtayi owesithandathu; nguEliyeli owesixhenxe;

12:12b.1CH.012.012 nguYohanan owesibhozo; nguElizabhadi owesithoba;

12:13b.1CH.012.013 nguYeremiya oweshumi; nguMakebhanayi oweshumi elinanye.

12:14b.1CH.012.014 Abo, koonyana bakaGadi, ibiziintloko zomkhosi. Emnye kubo engomncinane ubelilingene ikhulu; omkhulu kubo ubelilingene iwaka.

12:15b.1CH.012.015 Ngabo abo bayiwelayo iYordan ngenyanga yokuqala, izele, ihamba phezu kweendonga zayo; bagxotha bonke abasezintilini empumalanga nasentshonalanga.

12:16b.1CH.012.016 Kwaya aboonyana bakaBhenjamin bakaYuda emboniselweni kuDavide.

12:17b.1CH.012.017 Waphuma uDavide, waya kubakhawulela, wathi kubo, Ukuba niza kum ninoxolo, ukuba nindincede, intliziyo yam yoba nye neyenu; ke ukuba nize kundikhohlisa, nindinikele kubabandezeli bam, kungekho lugonyamelo esandleni sam, wobona uThixo woobawo bethu, ohlwaye.

12:18b.1CH.012.018 Umoya wamthi gqubuthu uAmasayi, intloko yabaphathi-mikhosi, wathi, Singabakho, Davide; singakuwe, nyana kaYese. Uxolo, uxolo lube kuwe, uxolo lube kubancedi bakho; ngokuba uya kunceda uThixo wakho. Wabamkela ke uDavide, wabamisa baziintloko zamaqela.

12:19b.1CH.012.019 KumaManase kwabakho abaphambela kuDavide, ekuyeni kwakhe namaFilisti ukuba kuliwe noSawule, baza abawanceda; ngokuba zacebisana zamndulula izikhulu zamaFilisti, zisithi, Wophambela kuSawule inkosi yakhe, senzakale ke.

12:20b.1CH.012.020 Ekuyeni kwakhe eTsikelage, wathelelwa ngabakwaManase, uAdena, noYozabhadi, noYedihayeli, noMikayeli, noYozabhadi, noElihu, noTsiletayi, iintloko zamawaka akwaManase.

12:21b.1CH.012.021 Bona bancedisana noDavide kuloo matutu; ngokuba babengamagorha anobukroti bonke, babengabathetheli emkhosini.

12:22b.1CH.012.022 Ngokuba ngelo xesha babesiya iimini ngeemini kuDavide ukumnceda, yada yangumkhosi omkhulu, njengomkhosi kaThixo.

12:23b.1CH.012.023 Ngawo la amanani eentloko ezaxhobela imfazwe, zeza kuDavide eHebron, ukuba buguqulelwe kuye ubukumkani bukaSawule, ngokomlomo kaYehova.

12:24b.1CH.012.024 Oonyana bakaYuda ababephethe amakhaka nezikhali ngamawaka amathandathu anamakhulu asibhozo, exhobele imfazwe.

12:25b.1CH.012.025 Koonyana bakaSimon, amagorha angamakroti emfazweni ngamawaka asixhenxe anekhulu.

12:26b.1CH.012.026 Koonyana bakaLevi ngamawaka amane, anamakhulu mathandathu.

12:27b.1CH.012.027 Ke uYehoyada waye eyinganga yama-Aron; wayenamawaka amathathu anamakhulu asixhenxe.

12:28b.1CH.012.028 Utsadoki, indodana eligorha elinobukroti, nendlu kayise, ngabathetheli abamashumi mabini anababini.

12:29b.1CH.012.029 Koonyana bakaBhenjamin, abazalwana bakaSawule, ngamawaka amathathu; kwada kwaba ngoku uninzi lwabo lugcina isigxina sendlu kaSawule.

12:30b.1CH.012.030 Koonyana bakaEfrayim ngamawaka amashumi mabini, anamakhulu asibhozo amagorha anobukroti, amadoda anegama ezindlwini zooyise.

12:31b.1CH.012.031 Kwisiqingatha sesizwe sakwaManase lishumi elinesibhozo lamawaka, ababalulwa ngamagama, ukuba baye kumenza ukumkani uDavide.

12:32b.1CH.012.032 Koonyana bakaIsakare, abawaziyo abawaqondayo amaxesha, ukwazela ange ekwenza amaSirayeli, babengamakhulu amabini, iintloko zabo. Bonke abazalwana babo benza ngokomlomo wabo.

12:33b.1CH.012.033 KwaZebhulon, abaphuma umkhosi, abaxhobela ukulwa, beneentonga zonke zemfazwe, ngamashumi omahlanu amawaka, behlohla uluhlu, bengenazintliziyo zimbaxa.

12:34b.1CH.012.034 KwaNafetali, yaba ngabathetheli abaliwaka, benamashumi amathathu anesixhenxe amawaka, aphethe amakhaka neentshuntshe.

12:35b.1CH.012.035 KwaDan, abaxhobele imfazwe yangamashumi amabini anesibhozo amawaka, anamakhulu mathandathu.

12:36b.1CH.012.036 Kwa-Ashere, abaphuma umkhosi, bexhobele ukulwa, yangamashumi omane amawaka.

12:37b.1CH.012.037 Phesheya kweYordan, kwaRubhen nakwaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, beneentonga zonke zomkhosi wokulwa, yalikhulu elinamanci mabini amawaka.

12:38b.1CH.012.038 Onke loo madoda okulwa ahlohla uluhlu, aya enentliziyo ephelelisekileyo eHebron, ukuba amenze ukumkani uDavide kumaSirayeli onke. Kananjalo namanye amaSirayeli onke ayenantliziyo-nye yokumenza ukumkani uDavide.

12:39b.1CH.012.039 AyenoDavide apho iintsuku ezintathu, esidla esela; ngokuba abazalwana bawo baye bewalungiselele.

12:40b.1CH.012.040 Kananjalo abakufuphi nabo, kwada kwesa kwaIsakare, nakwaZebhulon, nakwaNafetali, bazisa izonka ngamaesile, nangeenkamela, nangoondlebende, nangamaqegu, ukudla okungumgubo, nezicumba zamakhiwane nezeerasintyisi, newayini, neoli, neenkomo, nempahla emfutshane, into eninzi; ngokuba bekuvuywa kwaSirayeli.

13

13:1b.1CH.013.001 Wacebisana uDavide nabathetheli bamawaka nabamakhulu, iinganga zonke.

13:2b.1CH.013.002 Wathi uDavide kwibandla lonke lakwaSirayeli, Ukuba kulungile kuni, ukuba kuvela kuYehova uThixo wethu, masiphange, sithumele kubazalwana bethu abaseleyo emazweni onke akwaSirayeli, kunye nabo ke sithumele kubabingeleli nabaLevi abasemizini yamadlelo abo, ukuba babuthelane kuthi;

13:3b.1CH.013.003 siyiguqulele kuthi ityeya kaThixo wethu; ngokuba asibuzisanga kuyo ngeemini zikaSawule.

13:4b.1CH.013.004 Lathi lonke ibandla, Makwenjiwe njalo; ngokuba lalilungile elo zwi emehlweni abantu bonke.

13:5b.1CH.013.005 Wawabizela ndawonye ke uDavide onke amaSirayeli, wathabathela eShihore yaseYiputa, wada wasa ekungeneni eHamati, ukuba ayithabathe ityeya kaThixo eKiriyati-yeharim.

13:6b.1CH.013.006 Wenyuka uDavide namaSirayeli onke, waya eBhahala, eyiKiriyati-yeharim eyakwaYuda, ukuba ayinyuse apho ityeya kaThixo onguYehova, onguHleli-ezikerubhini, igama lokunqulwa kwakhe.

13:7b.1CH.013.007 Bayikhwelisa ityeya kaThixo enqwelweni entsha, ukuphuma endlwini ka-Abhinadabhi; u-Uza noAhiyo bayiqhuba inqwelo.

13:8b.1CH.013.008 UDavide namaSirayeli onke baqamba phambi koYehova ngamandla onke, ngeengoma, nangeehadi, nangemirhubhe, nangeengqongqo, nangamacangci nangamaxilongo.

13:9b.1CH.013.009 Baya bafika esandeni sikaKidon; u-Uza wasa isandla sakhe, wayibamba ityeya; ngokuba iinkomo beziyigungqisa.

13:10b.1CH.013.010 Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza, wambetha ngenxa enokuba wasa isandla sakhe etyeyeni; wafela khona phambi koThixo.

13:11b.1CH.013.011 Kwavutha umsindo kuDavide, ngokuba uYehova emtyhobozele ngotyhobozo u-Uza; wathi loo ndawo yiPeretse-uza, unanamhla.

13:12b.1CH.013.012 UDavide wamoyika uThixo ngaloo mini, wathi, Ndothini na ukuyizisa kum ityeya kaThixo?

13:13b.1CH.013.013 UDavide akayisa kuye ityeya emzini kaDavide; wayisonga, wayiphambukisela endlwini kaObhedi-edom waseGati.

13:14b.1CH.013.014 Yahlala ityeya kaThixo emzini kaObhedi-edom, endlwini yakhe, iinyanga zantathu. UYehova wayisikelela ke indlu kaObhedi-edom, nento yonke anayo.

14

14:1b.1CH.014.001 Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathuma abathunywa kuDavide, nemisedare, neengcibi zeendonga, neengcibi zemithi, ukumakhela indlu.

14:2b.1CH.014.002 Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile waba ngukumkani wamaSirayeli; baphakanyiselwa phezulu ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.

14:3b.1CH.014.003 UDavide wabuya wazeka abanye abafazi eYerusalem; uDavide wabuya wazala abanye oonyana neentombi.

14:4b.1CH.014.004 Ngawo la amagama abantwana awabazuzayo eYerusalem: uShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,

14:5b.1CH.014.005 noIbhehare, noElishuwa, noElipelete,

14:6b.1CH.014.006 noNoga, noNefege, noYafiya,

14:7b.1CH.014.007 noElishama, noBheleyada, noElifelete.

14:8b.1CH.014.008 Athi ke amaFilisti, akuva ukuba uthanjiswe uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, waphuma waya kuwahlangabeza.

14:9b.1CH.014.009 AmaFilisti eza athi dwe entilini yamaRafa.

14:10b.1CH.014.010 Wabuza uDavide kuThixo, wathi, Ndinyuke na ndiye kumaFilisti? Wowanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuye, Nyuka, ndowanikela esandleni sakho.

14:11b.1CH.014.011 Benyuka baya eBhahali-peratsim, wawabulalela khona uDavide. Wathi uDavide, UThixo uzityhobozele iintshaba zam ngesandla sam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko bathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.

14:12b.1CH.014.012 Azishiya apho izithixo zawo; wathi uDavide mazitshiswe ngomlilo.

14:13b.1CH.014.013 Abuya aphinda amaFilisti, athi dwe entilini leyo. Wabuya wabuza uDavide kuThixo.

14:14b.1CH.014.014 Wathi uThixo kuye, Uze ungenyuki uwasukele; jika umke kuwo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka;

14:15b.1CH.014.015 kuthi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ukuphuma ulwe; ngokuba uphumile uThixo phambi kwakho, ukuba awuxabele umkhosi wamaFilisti.

14:16b.1CH.014.016 Wenza uDavide njengoko uThixo wamwisela umthetho ngako; bawuxabela umkhosi wamaFilisti, bathabathela eGibheyon, besa naseGezere.

14:17b.1CH.014.017 Lwaphuma lwagqiba ilizwe udumo lukaDavide; uYehova wazenza zonke iintlanga ukuba zinkwantye nguye.

15

15:1b.1CH.015.001 UDavide wazenzela izindlu emzini kaDavide; wayilungiselela indawo ityeya kaThixo, wayimisela intente.

15:2b.1CH.015.002 Waza uDavide wathi, Mayingathwalwa ityeya kaThixo ngabangebaLevi; ngokuba unyule bona uYehova ukuba bayithwale ityeya kaThixo, bamlungiselele ngonaphakade.

15:3b.1CH.015.003 UDavide wawabizela ndawonye onke amaSirayeli eYerusalem, ukuze ityeya kaYehova inyuswe, isiwe endaweni yayo abeyilungisele yona.

15:4b.1CH.015.004 Wabahlanganisa uDavide oonyana baka-Aron nabaLevi.

15:5b.1CH.015.005 Koonyana bakaKehati yangu-Uriyeli umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinamanci mabini.

15:6b.1CH.015.006 Koonyana bakaMerari yanguAsaya umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini anamanci mabini.

15:7b.1CH.015.007 Koonyana bakaGershom yanguYoweli umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinamanci mathathu.

15:8b.1CH.015.008 Koonyana bakaElitsafan yanguShemaya umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini.

15:9b.1CH.015.009 Koonyana bakaHebron yanguEliyeli umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamashumi asibhozo.

15:10b.1CH.015.010 Koonyana bakaUziyeli yanguAminadabhi umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinashumi-nye linababini.

15:11b.1CH.015.011 UDavide wabiza ooTsadoki noAbhiyatare ababingeleli, nabaLevi ooUriyeli, noAsaya, noYoweli, noShemaya, noEliyeli, noAminadabhi.

15:12b.1CH.015.012 Wathi kubo, Niziintloko zezindlu zooyihlo kubaLevi; zingcwaliseni nina nabazalwana benu, ninyuse ityeya kaYehova uThixo kaSirayeli, ize apho ndiyilungiselele khona;

15:13b.1CH.015.013 ngokuba, yabingenini nje enayinyusayo kwasekuqaleni, wasityhobozela uYehova uThixo wethu, ngokuba singamfunanga ngokwesiko.

15:14b.1CH.015.014 Bazingcwalisa ke ababingeleli nabaLevi, ukuba bayinyuse ityeya kaYehova uThixo kaSirayeli.

15:15b.1CH.015.015 Bayithwala oonyana bakaLevi ityeya kaThixo, njengoko abemwisele umthetho uMoses ngokwelizwi likaYehova, emagxeni abo, ngezibonda ezikuwo.

15:16b.1CH.015.016 Wathi uDavide kubathetheli babaLevi, mabamise abazalwana babo babe ziimvumi, beneempahla zokuvuma: imirhubhe, neehadi, namacangci akhenkcezayo, kuphakanyiswe ngesandi sovuyo.

15:17b.1CH.015.017 AbaLevi bamisa ke uHeman unyana kaYoweli, nakubazalwana bakhe uSafu unyana kaBherekiya, nakoonyana bakaMerari, abazalwana babo, uEtan unyana kaKushaya,

15:18b.1CH.015.018 benabazalwana babo bolwesibini udidi: yanguZekariya, noBhen, noYahaziyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noUni, noEliyabhi, noBhenaya, noMahazeya, noMatitiya, noElifelehu, noMikeneya, oo-Obhedi-edom, noYehiyeli, abamasango.

15:19b.1CH.015.019 Iimvumi, ooHeman, noAsafu, noEtan, baba ngabokuvakalisa ngamacangci obhedu;

15:20b.1CH.015.020 ooZekariya, noHaziyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noUni, noEliyabhi, noMagaseya, noBhenaya, ngemirhubhe, ngeleentombi ilizwi;

15:21b.1CH.015.021 ooMatitiya, noElifelehu, noMikeneha, no-Obhedi-edom, noYehiyeli, noAzaziya ngeehadi, ngelamadoda ilizwi, ukuba bahlabele.

15:22b.1CH.015.022 UKenaniya, umthetheli wabaLevi ekuthwaleni, wafundisa ukuthwala; ngokuba ebenengqondo yoko.

15:23b.1CH.015.023 OoBherekiya noElikana babengabamasango etyeya.

15:24b.1CH.015.024 OoShebhaniya, noYehoshafati, noNataniyeli, noAmasayi, noZekariya, noBhenaya, noEliyezere, ababingeleli, babengabokuvuthela ngamaxilongo phambi kwetyeya kaThixo, Oo-Obhedi-edom noYehiya babengabamasango etyeya.

15:25b.1CH.015.025 Kwathi ke ooDavide, namadoda amakulu akwaSirayeli, nabathetheli bamawaka, baya kuyinyusa ityeya yomnqophiso kaYehova endlwini kaObhedi-edom, bevuya.

15:26b.1CH.015.026 Kwathi, ekubancedeni kukaThixo abaLevi, bayithwala ityeya yomnqophiso kaYehova, babingelela iinkunzi ezintsha zeenkomo zasixhenxe, neenkunzi zeegusha zasixhenxe.

15:27b.1CH.015.027 Wayambethe ingubo yokwaleka yelinen ecikizekileyo uDavide, nabaLevi bonke ababethwele ityeya, neemvumi, noKenaniya umphathi wabathwali; ke uDavide wayebhinqe iefodi yelinen emhlophe.

15:28b.1CH.015.028 AmaSirayeli onke abeyinyusa ityeya yomnqophiso kaYehova eduma, enesandi sezigodlo, nesamaxilongo, nesamacangci, evakalisa ngemirhubhe nangeehadi.

15:29b.1CH.015.029 Kwathi ke ekufikeni kwetyeya yomnqophiso kaYehova emzini kaDavide, walunguza ngefestile uMikali, intombi kaSawule, wabona ukumkani uDavide esina, eqamba, wamcekisa entliziyweni yakhe.

16

16:1b.1CH.016.001 Bayingenisa ityeya kaThixo, bayimisa esazulwini sentente abeyimisele yona uDavide; basondeza amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, phambi koThixo.

16:2b.1CH.016.002 Wagqiba ke uDavide ukunyusa amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, wabasikelela abantu egameni likaYehova.

16:3b.1CH.016.003 Wababela bonke abantu bakwaSirayeli, ethabathela kwindoda wesa nakumfazi; elowo wamnika intenda yesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi.

16:4b.1CH.016.004 Wamisa phambi kwetyeya kaYehova abalungiseleli kubaLevi, ukuba bakhumbuze, babulele, badumise uYehova uThixo kaSirayeli.

16:5b.1CH.016.005 YanguAsafu intloko, yanguZekariya emva kwakhe, noYehiyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noMatitiya, noEliyabhi, noBhenaya, no-Obhedi-edom, noYahaziyeli, ngeempahla zemirhubhe nangeehadi; uAsafu wenza isandi ngamacangci.

16:6b.1CH.016.006 OoBhenaya noYahaziyeli ababingeleli benza isandi ngamaxilongo ngamaxesha onke, phambi kwetyeya yomnqophiso kaThixo.

16:7b.1CH.016.007 Waza ngaloo mini uDavide wabamisela kuqala ooAsafu nabazalwana bakhe ukubulela kuYehova:

16:8b.1CH.016.008 Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, Yazisani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo.

16:9b.1CH.016.009 Vumani kuye, mbetheleni uhadi, Xoxani ngemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo.

16:10b.1CH.016.010 Qhayisani ngegama lakhe elingcwele, Mayivuye intliziyo yabamngxameleyo uYehova.

16:11b.1CH.016.011 Mfuneni uYehova namandla akhe, Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke.

16:12b.1CH.016.012 Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo, awayenzayo, Izimanga zakhe nezigwebo zomlomo wakhe,

16:13b.1CH.016.013 Mbewu kaSirayeli, yomkhonzi wakhe, Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe.

16:14b.1CH.016.014 NguYehova, nguThixo wethu yena; Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe.

16:15b.1CH.016.015 Khumbulani ngonaphakade umnqophiso wakhe, Ilizwi awalimisela izizukulwana eziliwaka,

16:16b.1CH.016.016 Awanqophisana ngalo noAbraham; Nokufunga kwakhe kuIsake;

16:17b.1CH.016.017 Nokumisa kwakhe ukuba kube ngummiselo kuYakobi, Kube ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;

16:18b.1CH.016.018 Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan, Libe licandelo lelifa lenu,

16:19b.1CH.016.019 Nisengamadoda ambalwa, Nibancinane, ningabaphambukeli kulo.

16:20b.1CH.016.020 Bahamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga; Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.

16:21b.1CH.016.021 Akavumela mntu ukuba abacudise, Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo,

16:22b.1CH.016.022 Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam, Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.

16:23b.1CH.016.023 Vumani kuYehova, nonke hlabathi, Shumayelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe iimini ngeemini.

16:24b.1CH.016.024 Balisani ezintlangeni zonke uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo.

16:25b.1CH.016.025 Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene; Uyoyikeka ngaphezu koothixo bonke,

16:26b.1CH.016.026 Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu.

16:27b.1CH.016.027 Yindili nobungangamela phambi kwakhe, Ngamandla novuyo endaweni yakhe engcwele.

16:28b.1CH.016.028 Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe, Mnikeni uYehova uzuko namandla.

16:29b.1CH.016.029 Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Zisani umnikelo, nime phambi kwakhe; Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele.

16:30b.1CH.016.030 Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi; Elimiweyo liya kuzinza ngoko, lingashukumi.

16:31b.1CH.016.031 Malivuye izulu, ligcobe ihlabathi, Makuthiwe ezintlangeni, UYehova ngukumkani.

16:32b.1CH.016.032 Malugqume ulwandle nokuzala kwalo; Malidlamke ilizwe, nento yonke ekulo,

16:33b.1CH.016.033 Ize imemelele imithi yehlathi phambi koYehova; Ngokuba esiza kuligweba ihlabathi.

16:34b.1CH.016.034 Bulelani kuYehova ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

16:35b.1CH.016.035 Yithini, Sisindise, Thixo osisindisayo, Usibuthe, usihlangule ezintlangeni, Ukuze sibulele igama lakho elingcwele, Sizingce ngendumiso yakho.

16:36b.1CH.016.036 Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, Kususela kwaphakade, kude kuse ephakadeni! Bathi ke bonke abantu, Amen, bamdumisa uYehova.

16:37b.1CH.016.037 Wabashiya apho phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova ooAsafu nabazalwana bakhe, ukuba balugiselele phambi kwetyeya ngamaxesha onke, ngokwento yemini ngangemini yayo;

16:38b.1CH.016.038 noo-Obhedi-edom nabazalwana babo, bemashumi mathandathu anesibhozo; uObhedi-edom, unyana kaYedutun, noHosa bengabamasango.

16:39b.1CH.016.039 UTsadoki umbingeleli, nabazalwana bakhe abangababingeleli, babephambi komnquba kaYehova esigangeni esiseGibheyon,

16:40b.1CH.016.040 ukuba banyuse amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sedini elinyukayo amaxesha onke, kusasa nangokuhlwa, njengako konke okubhaliweyo emyalelweni kaYehova, awawumisela amaSirayeli.

16:41b.1CH.016.041 Babenabo ooHeman noYedutun, nabanye abanyulwa, abo babekhankanywe ngamagama, ukuba babulele kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

16:42b.1CH.016.042 benooHeman noYedutun, benamaxilongo, namacangci, abo benza isandi beneempahla zokuvuma zikaThixo; oonyana bakaYedutun bengabamasango.

16:43b.1CH.016.043 Bahamba bonke abantu, elowo waya endlwini yakhe; wabuya ke uDavide, weza kusikelela indlu yakhe.

17

17:1b.1CH.017.001 Ke kaloku kwathi, xa ahleliyo uDavide endlwini yakhe, wathi uDavide kuNatan umprofeti, Uyabona, mna ndihleli endlwini yemisedare; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova iphantsi kwamalengalenga.

17:2b.1CH.017.002 Wathi uNatan kuDavide, Konke okusentliziyweni yakho, kwenze, ngokuba uThixo unawe.

17:3b.1CH.017.003 Kwathi ngobo busuku lafika ilizwi likaThixo kuNatan, lisithi,

17:4b.1CH.017.004 Hamba uye kuthi kuDavide umkhonzi wam, Utsho uYehova ukuthi, Wena akusayi kundakhela ndlu yakuhlala.

17:5b.1CH.017.005 Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kulaa mini ndawanyusayo ngayo amaSirayeli, unanamhla; ke ndisuka ententeni ndiye ententeni, ndisuke emnqubeni ndiye emnqubeni.

17:6b.1CH.017.006 Ekuhambeni konke, endakuhamba-hambayo namaSirayeli onke, khe ndathetha izwi na nakumnye kubagwebi bakwaSirayeli, endabawisela umthetho wokwalusa abantu bam, lokuthi, Yini na ukuba ningandakheli ndlu yamisedare?

17:7b.1CH.017.007 Ke ngoko wotsho kuDavide umkhonzi wam, ukuthi, Utsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndakuthabatha edlelweni mna, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yinganga yabantu bam amaSirayeli.

17:8b.1CH.017.008 Ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho ebusweni bakho, ndakwenzela igama njengegama labakhulu abasehlabathini.

17:9b.1CH.017.009 Ndiya kubamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndibatyale, beme emanxuweni abo, bangabi sagungqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babonakalise, njengamhla mnene;

17:10b.1CH.017.010 kususela kulaa mini ndabamisela abantu bam amaSirayeli abagwebi, ndazithoba zonke iintshaba zakho. Ke ndiyakuxelela ukuba uYehova uya kukwakhela indlu.

17:11b.1CH.017.011 Kothi, xa ithe yazaliseka imihla yakho yokuba uye kooyihlo, ndiyipha kamise emva kwakho imbewu yakhe, eya kuvela koonyana bakho, ndibuzi nzise ukukumkani bakhe.

17:12b.1CH.017.012 Nguye oya kundakhela indlu, ndiyizinzise itrone yakhe, kude kuse ephakadeni.

17:13b.1CH.017.013 Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana kum. Inceba yam andiyi kuyisusa kuye, njengoko ndayisusayo kowayengaphambi kwakho.

17:14b.1CH.017.014 Ndiya kummisa endlwini yam, nasebukumkanini bam, kude kuse ephakadeni; itrone yakhe iya kuzinza kude kuse ephakadeni.

17:15b.1CH.017.015 Njengaloo mazwi onke, njengaloo mbono wonke, wenjenjalo uNatan ukuthetha kuDavide.

17:16b.1CH.017.016 Waya ukumkani uDavide, wahlala phambi koYehova, wathi, Ndingubani na, Yehova Thixo, iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha?

17:17b.1CH.017.017 Kuncinane oko ke emehlweni akho, Thixo; uthethe nangendlu yomkhonzi wakho wasingisa mgama; wandikhangela, wandenza umntu, wandinyusa, Yehova Thixo.

17:18b.1CH.017.018 Usaya kongeza ntoni na uDavide, ukuthetha kuwe ngokusingisele ekuzukisweni komkhonzi wakho lo? Wena uyamazi umkhonzi wakho lo.

17:19b.1CH.017.019 Yehova, ubenze ngenxa yomkhonzi wakho, nangokwentliziyo yakho, bonke obo bukhulu, ukwazisa ezi zenzo zonke zikhulu kangaka.

17:20b.1CH.017.020 Yehova, akukho unjengawe; akukho Thixo ngaphaya kwakho, njengoko konke sikuvileyo ngeendlebe zethu.

17:21b.1CH.017.021 Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho amaSirayeli; awaya kuzikhululela lona uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba akumisele igama ngezenzo ezikhulu nezoyikekayo, ngokugxotha iintlanga phambi kwabantu bakho owabakhululayo eYiputa?

17:22b.1CH.017.022 Wabenza abantu bakho amaSirayeli baba ngabantu kuwe, kude kuse ephakadeni; wena, Yehova, waba nguThixo kubo.

17:23b.1CH.017.023 Kaloku, Yehova, ilizwi olithethileyo ngomkhonzi wakho, nangendlu yakhe, malibe yinyaniso kude kuse ephakadeni, wenze njengoko uthethileyo;

17:24b.1CH.017.024 libe yinyaniso, likhule igama lakho kude kuse ephakadeni, kusithiwa, UYehova wemikhosi, uThixo wamaSirayeli, nguThixo kuSirayeli; indlu kaDavide, umkhonzi wakho, iqinile phambi kwakho.

17:25b.1CH.017.025 Ngokuba wena, Thixo wam, ukutyhilile ezindlebeni zomkhonzi wakho, ukuba uya kumakhela indlu. Ngenxa yoko umkhonzi wakhe ufumene intliziyo yokuthandaza phambi kwakho.

17:26b.1CH.017.026 Kaloku, Yehova, unguye uThixo wena; uzithethile ke ngomkhonzi wakho ezi zinto zilungileyo.

17:27b.1CH.017.027 Kaloku makukholeke kuwe ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, ukuba ihlale ihleli phambi kwakho ngonaphakade; ngokuba wena, Yehova, uyisikelele into, yosikeleleka ke ngonaphakade.

18

18:1b.1CH.018.001 Kwathi emveni kokuba njalo, uDavide wawaxabela amaFilisti, waweyisa; wayithabatha iGati namagxamesi ayo esandleni samaFilisti.

18:2b.1CH.018.002 Wawaxabela amaMowabhi; amaMowabhi aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo.

18:3b.1CH.018.003 UDavide wamxabela uHadarezere, ukumkani weTsobha, eHamati, ekuyeni kwakhe ukuwamisa amandla akhe emlanjeni ongumEfrati.

18:4b.1CH.018.004 UDavide wazithimbela iwaka leenqwelo zokulwa, namawaka asixhenxe abamahashe, namashumi omabini amawaka angumqikela. UDavide wawanqumla imisipha onke amahashe eenqwelo zokulwa, washiya kuwo aweenqwelo alikhulu.

18:5b.1CH.018.005 Ke ama-Aram aseDamasko eza kunceda uHadarezere ukumkani weTsobha. UDavide wabulala kuma-Aram amashumi amabini anamabini amawaka amadoda.

18:6b.1CH.018.006 UDavide wamisa ikampu kwa-Aram-damasko. Ama-Aram aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.

18:7b.1CH.018.007 Wawathabatha uDavide amakhaka egolide abekubakhonzi bakaHadarezere, wawazisa eYerusalem;

18:8b.1CH.018.008 naseTibhati naseKun, imizi kaHadarezere, uDavide wathabatha ubhedu oluninzi kunene, olo uSolomon wenza ngalo ulwandle lobhedu, neentsika, nempahla yobhedu.

18:9b.1CH.018.009 Weva ke uTohu ukumkani waseHamati, ukuba uDavide uyixabele yonke impi kaHadarezere ukumkani waseTsobha,

18:10b.1CH.018.010 wathuma uHadoram, unyana wakhe, kukumkani uDavide, ukuba ambuze ukuphila kwakhe, amsikelele, ngenxa yokuba ebelwile noHadarezere, wameyisa (ngokuba uTohu wayengumfo obesilwa noHadarezere). Waye uHadoram lowo ephethe neempahla zonke zegolide, nezesilivere, nezobhedu.

18:11b.1CH.018.011 Ukumkani uDavide wazingcwalisela kuYehova kananjalo ezo, kunye nesilivere negolide abeyithabathile ezintlangeni zonke, kumaEdom, nakumaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, nakuma-Amaleki.

18:12b.1CH.018.012 UAbhishayi unyana kaTseruya wawabulala amaEdom angamawaka alishumi linesibhozo eSihlanjeni seTyuwa.

18:13b.1CH.018.013 Wamisa ikampu kwelamaEdom; aba ngabakhonzi kuDavide onke amaEdom. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.

18:14b.1CH.018.014 Waye engukumkani ke uDavide kumaSirayeli onke; waye uDavide esenza okusesikweni nobulungisa ebantwini bakhe bonke.

18:15b.1CH.018.015 Ke uYowabhi unyana kaTseruya wayephethe umkhosi; noYehoshafati unyana ka-Ahiludi wayengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu.

18:16b.1CH.018.016 UTsadoki unyana ka-Ahitubhi, noAbhimeleki unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli; uShavesha wayengumbhali.

18:17b.1CH.018.017 UBhenaya unyana kaYoyada ubephethe abancinithi nezigidimi. Oonyana bakaDavide babeyingalo yokunene kukumkani.

19

19:1b.1CH.019.001 Kwathi emva koko, wafa uNahashe, ukumkani woonyana baka-Amon; waba ngukumkani unyana wakhe esikhundleni sakhe.

19:2b.1CH.019.002 Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzela inceba. Wathumela uDavide abathunywa bokumkhuza ngaye uyise. Beza ke abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon kuHanun, ukuba bamkhuze.

19:3b.1CH.019.003 Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun, Ucinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? Abakhonzi bakhe abeze kuwe na ukuze baligocagoce, balibhukuqe, balihlole ilizwe?

19:4b.1CH.019.004 Wabathabatha uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya, wazicanda phakathi iingubo zawo ezinde, wada waya kuma ngemisekela; wabandulula ke.

19:5b.1CH.019.005 Bahamba, bamxelela uDavide okwenziwe kuloo madoda. Wathumela bawakhawulela; ngokuba amadoda lawo ayehlazisiwe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya ke.

19:6b.1CH.019.006 Babona oonyana baka-Amon, ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke ooHanun noonyana baka-Amon kwa-Aram ephakathi kweMilambo, nakwa-Aram-mahaka, naseTsobha, iwakaleetalente zesilivere, ukuba baqeshe iinqwelo zokulwa nabamahashe.

19:7b.1CH.019.007 Baziqeshela amashumi amathathu anamabini amawaka eenqwelo zokulwa, nokumkani waseMahaka, nabantu bakhe; beza ke bamisa iintente phambi kweMedebha. Oonyana baka-Amon bahlanganisana, bephuma emizini yabo, beza kulwa.

19:8b.1CH.019.008 Weva uDavide, wathuma uYowabhi, enomkhosi wonke wamagorha.

19:9b.1CH.019.009 Baphuma oonyana baka-Amon, bakha izintlu zokulwa ekungeneni komzi, ookumkani ababezile bebodwa endle.

19:10b.1CH.019.010 Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheke kuye, ngaphambili nangasemva; wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wakha uluhlu malunga nama-Aram.

19:11b.1CH.019.011 Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi, umninawa wakhe; bakha uluhlu malunga noonyana baka-Amon.

19:12b.1CH.019.012 Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wondisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakweyisa,

19:13b.1CH.019.013 ndokusiza Yomelela, somelele ngenxa yabantu bakowethu, nangenxa yemizi yoThixo wethu; uYehova uya kwenza oko kulungileyo emehlweni akhe.

19:14b.1CH.019.014 Wafika uYowabhi nabantu ababenaye, wema phambi kwama-Aram, eza kulwa; asaba ebusweni bakhe.

19:15b.1CH.019.015 Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi umninawa wakhe, bangena ekhaya.

19:16b.1CH.019.016 Waya uYowabhi eYerusalem. Abona ama-Aram ukuba agxothiwe phambi kwamaSirayeli, athuma izigidimi, awarhola ama-Aram abephesheya koMlambo, uShofaki, umthetheli womkhosi kaHadarezere, ephambi kwawo.

19:17b.1CH.019.017 Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya kuwo, wakha uluhlu ukuba alwe nawo. UDavide walwakha uluhlu, esiya kuwahlangabeza ama-Aram ukuba alwe nawo; alwa ke naye.

19:18b.1CH.019.018 Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli; uDavide wabulala kuma-Aram amawaka asixhene abeenqwelo zokulwa, namashumi amane amawaka amadoda angumqikela, wabulala noShofaki, umthetheli womkhosi.

19:19b.1CH.019.019 Babona abakhonzi bakaHadarezere ukuba bagxothiwe phambi kwamaSirayeli, baxolisana noDavide, bamkhonza. Akavuma ama-Aram ukuba sabasiza oonyana baka-Amon.

20

20:1b.1CH.020.001 Kwathi ukuvela komnyaka, ngexesha lokuphuma kookumkani, uYowabhi wayeyiphethe impi ephuma umkhosi; walonakalisa ilizwe loonyana baka-Amon, wafika wayingqinga iRabha. UDavide yena wahlala eYerusalem. UYowabhi ke wayichitha iRabha, wayitshabalalisa.

20:2b.1CH.020.002 UDavide wasithabatha isithsaba sokumkani wabo entlokweni yakhe, wasifumana siyitalente yegolide ubunzima baso, sinamatye anqabileyo; sabekwa entlokweni kaDavide. Waphuma namaxhoba aloo mzi amaninzi kunene.

20:3b.1CH.020.003 Ke abantu ababekhona wabarhola, wabasika ngeesarha, nangezisizilo zesinyithi, nangeempahla ezibukhali zesinyithi. Wenjenjalo uDavide kwimizi yonke yoonyana baka-Amon. Wabuya ke uDavide nabantu bonke, waya eYerusalem.

20:4b.1CH.020.004 Kwathi emva koko, kwaliwa namaFilisti eGezere; wesuka uSibhekayi umHusha wambulala uSipayi, obe engowoonyana bakaRafa; oyiswa ke.

20:5b.1CH.020.005 Kwabuya kwaliwa namaFilisti. UElihanan unyana kaYahire wambulala uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, oluthi lwentshuntshe yakhe lwalungangomthi wabaluki.

20:6b.1CH.020.006 Kwabuya kwaliwa eGati. Kwakho ndoda iyingxilimbela, eminwe neenzwane zazingamashumi amabini anane; imithandathu sandleni sinye, zintandathu lunyaweni lunye; nayo ibizalwa nguRafa.

20:7b.1CH.020.007 Yawangcikiva amaSirayeli; wayibulala uYonatan, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide.

20:8b.1CH.020.008 Abo bazalwa nguRafa eGati; bawa ngesandla sikaDavide, nangesandla sabakhonzi bakhe.

21

21:1b.1CH.021.001 Ke kaloku uSathana wesukela phezulu kumaSirayeli, waxhokonxa uDavide ukuba awabale amaSirayeli.

21:2b.1CH.021.002 Wathi ke uDavide kuYowabhi nakubathetheli babantu, Khaniye, niwabale amaSirayeli, nithabathela eBher-shebha, nide nise kwaDan, nilizise kum, ndilazi inani lawo.

21:3b.1CH.021.003 Wathi uYowabhi, UYehova makalongezelele inani labantu bakhe izihlandlo ezilikhulu, kunoko bangako; kodwa, nkosi yam, kumkani, abangabakhonzi benkosi yam bonke, yini na? Iyifunelani na le nto inkosi yam? Yini na ukuba iwazekise ityala amaSirayeli?

21:4b.1CH.021.004 Laqinisela ilizwi lokumkani kuYowabhi. Waphuma ke uYowabhi, wahambahamba kumaSirayeli onke, weza eYerusalem.

21:5b.1CH.021.005 UYowabhi wamnika ke uDavide inani lokubalwa kwabantu. AmaSirayeli onke aba sisigidi esinye esinamawaka alikhulu samadoda aphatha ikrele; namaYuda angamakhulu amane anamanci asixhenxe amawaka amadoda aphatha ikrele.

21:6b.1CH.021.006 Ke abaLevi namaBhenjamin akawabalanga phakathi kwawo; ngokuba ilizwi lokumkani laye lilisikizi kuYowabhi.

21:7b.1CH.021.007 Kwaba kubi emehlweni kaThixo ngenxa yale nto; wawohlwaya ke amaSirayeli.

21:8b.1CH.021.008 Wathi uDavide kuThixo, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze ubudenge obukhulu.

21:9b.1CH.021.009 Wathetha uYehova kuGadi, imboni kaDavide, esithi,

21:10b.1CH.021.010 Yiya uthethe kuDavide, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikubekela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.

21:11b.1CH.021.011 Waya ke uGadi kuDavide, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Zityumbele;

21:12b.1CH.021.012 nokuba yiminyaka emithathu yendlala; nokuba ziinyanga ezintathu ugxothwa ziintshaba zakho, nekrele leentshaba zakho likufikela; nokuba yimihla emithathu yekrele likaYehova, nendyikitya yokufa ezweni, isithunywa sikaYehova sisonakalisa emimandleni yonke yakwaSirayeli. Kaloku ke, yenza ilizwi endolibuyisela kondithumileyo.

21:13b.1CH.021.013 Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene; masendisiwa esandleni sikaYehova, ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.

21:14b.1CH.021.014 UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli; kwawa amashumi asixhenxe amawaka amadoda kwaSirayeli.

21:15b.1CH.021.015 UThixo wathuma isithunywa eYerusalem, ukuba siyitshabalalise. Sakubona ukuba siyatshabalalisa, wabona uYehova, wazohlwaya ngenxa yobubi obo; wathi kwisithunywa eso sitshabalalisayo, Kwanele, sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova sema esandeni sikaOrnan umYebhusi.

21:16b.1CH.021.016 UDavide wawaphakamisa amehlo akhe, wabona isithunywa sikaYehova simi phakathi komhlaba nezulu, sithe rhuthu ikrele laso ngesandla, lolulelwe phezu kweYerusalem. UDavide namadoda amakhulu, bezigubungele ngeengubo ezirhwexayo, bawa phantsi ngobuso.

21:17b.1CH.021.017 Wathi uDavide kuThixo, Asindim yini na othe mababalwe abantu? Yaba ndim ke owonileyo, ndenza ububi ukwenza oko; ke ezi zimvu zenze ntoni na zona? Yehova Thixo wam, isandla sakho masifikele mna, nendlu kabawo, singabi kubantu bakho, ukuba babulawe.

21:18b.1CH.021.018 Sathi isithunywa sikaYehova kuGadi, Makatsho kuDavide, enyuke uDavide, amisele uYehova isibingelelo esandeni sikaOrnan umYebhusi.

21:19b.1CH.021.019 Wenyuka uDavide ngelizwi likaGadi, awalithethayo egameni likaYehova.

21:20b.1CH.021.020 Wathi guququ uOrnan, wasibona isithunywa; oonyana bakhe abane ababenaye bazimela; ke uOrnan wayebhula ingqolowa.

21:21b.1CH.021.021 Xa uDavide wayesiza kuOrnan, uOrnan wabheka wabona uDavide, waphuma esandeni, waqubuda kuDavide, ebhekise ubuso bakhe emhlabeni.

21:22b.1CH.021.022 Wathi uDavide kuOrnan, Ndinike le ndawo yesanda, ndimakhele uYehova khona isibingelo; wondinika ngenani elizeleyo, sithintelwe isibetho ebantwini.

21:23b.1CH.021.023 Wathi uOrnan kuDavide, Yithabathele kuwe, inkosi yam ukumkani yenze okulungileyo emehlweni ayo; khangela, ndikunika iinkomo ezi ukuba zibe ngamadini anyukayo, nempahla yokubhula ibe ziinkuni, nengqolowa ukuba ibe ngumnikelo wokudla; ndikunika konke oko.

21:24b.1CH.021.024 Wathi ukumkani uDavide kuOrnan, Hayi; ndiya kusithenga ngexabiso elizalisekileyo; ngokuba andiyi kumthabathela nto iyeyakho uYehova, ndinyuse amadini anyukayo endiwazuze ngelize.

21:25b.1CH.021.025 UDavide wamnika uOrnan ngaloo ndawo iishekele zegolide ezibunzima bumakhulu mathandathu.

21:26b.1CH.021.026 Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wanqula uYehova; waza yena wamphendula ngomlilo ovela ezulwini, phezu kwesibingelelo sedini elinyukayo.

21:27b.1CH.021.027 Wathetha uYehova kwisithunywa, salibuyisela esingxobeni ikrele laso.

21:28b.1CH.021.028 Ngelo xesha, akubona uDavide ukuba uYehova umphendule esandeni sikaOrnan umYebhusi, wamana ebingelela khona.

21:29b.1CH.021.029 Ke umnquba kaYehova, awa wenzayo uMoses entlango, nesibingelelo sedini elinyukayo, bezisesigangeni eGibheyon ngelo xesha.

21:30b.1CH.021.030 UDavide ubengenakuya phambi kwawo amquqele uThixo; ngokuba ubesoyika ikrele lesithunywa sikaYehova.

22

22:1b.1CH.022.001 Wathi uDavide, Yiyo le indlu kaYehova uThixo; siso esi isibingelelo sedini elinyukayo sikaSirayeli.

22:2b.1CH.022.002 Wathi uDavide, mabawomele kuye abasemzini abasezweni lakwaSirayeli; wamisa abaqingqi bokuqingqa amatye axholiweyo, okwakha indlu kaThixo.

22:3b.1CH.022.003 UDavide walungisa isinyithi sasininzi sezikhonkwane zeengcango zamasango nesezibandakanyiso; nobhedu lwaluninzi, alwaba nakulinganiswa;

22:4b.1CH.022.004 nemisedare engenakubalwa; ngokuba abaseTsidon nabaseTire bazisa imisedare yamininzi kuDavide.

22:5b.1CH.022.005 Wathi uDavide, USolomon unyana wam mncinane, uthambile; ke indlu eza kwakhelwa uYehova yeyokukhulisa, inyuse igama lakhe nodumo lwakhe emazweni onke; ngoko ke ndokha ndimlungiselele. Walungisa ke kakhulu uDavide phambi kokufa kwakhe.

22:6b.1CH.022.006 Wambiza uSolomon unyana wakhe, wamwisela umthetho wokuba amakhele uYehova, uThixo kaSirayeli, indlu.

22:7b.1CH.022.007 Wathi uDavide kuSolomon, Nyana wam, ndandisithi entliziyweni yam, ndiya kulakhela igama likaYehova uThixo wam indlu.

22:8b.1CH.022.008 Ke lafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, Uphalaze igazi lalininzi, wenza iimfazwe ezinkulu; akuyi kulakhela ndlu igama lam, ngokuba uphalaze igazi elininzi ehlabathini phambi kwam.

22:9b.1CH.022.009 Yabona, uya kuzalelwa unyana; yena uya kuba yindoda yoxolo; ndiya kumphumza ezintshabeni zakhe zonke ngeenxa zonke; ngokuba liya kuba nguSolomon igama lakhe, ndiwanike uxolo nokuzola amaSirayeli ngeemini zakhe.

22:10b.1CH.022.010 Nguye oya kulakhela igama lam indlu. Yena uya kuba ngunyana kum, mna ndibe nguyise kuye, ndiyizinzise itrone yobukumkani bakhe kumaSirayeli, kude kuse ephakadeni.

22:11b.1CH.022.011 Kaloku, nyana wam, uYehova makabe nawe, ube nempumelelo, uyakhe indlu kaYehova uThixo wakho, njengoko akuthethileyo ngawe.

22:12b.1CH.022.012 Kodwa ke uYehova makakunike ukuqiqa nokuqonda, akuwisele umthetho ngamaSirayeli, ukuba uwugcine umyalelo kaYehova uThixo wakho.

22:13b.1CH.022.013 Uya kwandula ukuba nempumelelo, xa uthe wakugcina ukuyenza imimiselo namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini.

22:14b.1CH.022.014 Uyabona, ngemigudu yam indlu kaYehova ndiyilungisele ikhulu lamawaka eetalente zegolide, nesigidi esinye seetalente zesilivere, nobhedu nesinyithi, into engenakulinganiselwa ukuba ninzi kwayo; ndilungise nemithi namatye; nawe ungongeza kwezozinto.

22:15b.1CH.022.015 Unabo bebaninzi abasebenzi bomsebenzi, abaxholi neengcibi zamatye nezemithi, nabalumkileyo emisebenzini yonke.

22:16b.1CH.022.016 Igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, yinto engenakubalwa. Suk’ ume, wenze, uYehova abe nawe.

22:17b.1CH.022.017 UDavide wabawisela umthetho bonke abathetheli bakwaSirayeli, ukuba bamncede uSolomon unyana wakhe, wathi,

22:18b.1CH.022.018 Akanani yini na uYehova uThixo wenu, waniphumza ngeenxa zonke? Ngokuba wabanikela esandleni sam abemi belizwe eli; loyiswa ilizwe eli phambi koYehova, naphambi kwabantu bakhe.

22:19b.1CH.022.019 Ke ngoko zinikeleni iintliziyo zenu nemiphefumlo yenu ekumquqeleni uYehova uThixo wenu; sukani nime, niyakhe ingcwele kaYehova uThixo, ningenise ityeya yomnqophiso kaYehova, neempahla ezingcwele zikaThixo, endlwini leyo iya kwakhelwa igama likaYehova.

23

23:1b.1CH.023.001 Ke kaloku, xa uDavide wayesel’ aluphele, ehambisekile ebudaleni, wamenza uSolomon unyana wakhe ukumkani kumaSirayeli.

23:2b.1CH.023.002 Wabahlanganisa bonke abathetheli bamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi.

23:3b.1CH.023.003 Babalwa abaLevi, kwathatyathelwa kwabaminyaka imashumi mathathu bezelwe kwenyusa. Inani labo ngokweentloko zabo, indoda ngendoda, laba ngamashumi amathathu anesibhozo amawaka.

23:4b.1CH.023.004 Kubo aba, abokongamela umsebenzi wendlu kaYehova baba ngamashumi amabini anamane amawaka; ababhali nabagwebi bangamawaka amathandathu.

23:5b.1CH.023.005 Abamasango baba ngamawaka amane; abadumisa uYehova ngeempahla endazenzela ukudumisa, watsho uDavide, baba ngamawaka amane.

23:6b.1CH.023.006 UDavide wabahlula bazizahlulo ngokoonyana bakaLevi, yanguGershon, noKehati, noMerari.

23:7b.1CH.023.007 KumaGershon yanguLadan noShimehi.

23:8b.1CH.023.008 Oonyana bakaLadan nguYehiyeli omkhulu, noZetam, noYoweli; bathathu.

23:9b.1CH.023.009 Oonyana bakaShimehi nguShelomiti, noHaziyeli, noHaran; bathathu. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zikaLadan.

23:10b.1CH.023.010 Oonyana bakaShimehi nguYahati noZina, noYehushe, noBheriya. Ngabo abo oonyana bakaShimehi; bane.

23:11b.1CH.023.011 UYahati wayengomkhulu, uZiza engowesibini; ke uYehushe noBheriya bebengenanyana baninzi; ngoko ke baba ludidi olunye, babalelwa kwindlu yoyise.

23:12b.1CH.023.012 Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli; bane.

23:13b.1CH.023.013 Oonyana baka-Amram nguAron noMoses. UAron watwetyulelwa ukuba angcwaliswe abe yingcwele kangcwele, yena noonyana bakhe, kude kuse ephakadeni; baqhumisele phambi koYehova, balungiselele kuye, basikelele egameni lakhe kude kuse ephakadeni.

23:14b.1CH.023.014 Ke uMoses, umfo wakwaThixo, oonyana bakhe babizwa ngokwesizwe sakwaLevi.

23:15b.1CH.023.015 Oonyana bakaMoses nguGershom noEliyezere.

23:16b.1CH.023.016 Koonyana bakaGershom nguShebhuweli inkulu.

23:17b.1CH.023.017 Koonyana bakaEliyezere nguRehabheya inkulu. UEliyezere akabanga nanyana bambi; ke oonyana bakaRehabheya bebebaninzi, bagqithisela.

23:18b.1CH.023.018 Koonyana bakaItsare nguShelomiti inkulu.

23:19b.1CH.023.019 Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesine.

23:20b.1CH.023.020 Koonyana bakaUziyeli nguMika inkulu, noIshiya owesibini.

23:21b.1CH.023.021 Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe.

23:22b.1CH.023.022 Wafa uElazare engenanyana, eneentombi zodwa; zazekwa ngoonyana bakaKishe, abazalwana bazo.

23:23b.1CH.023.023 Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYeremoti; bathathu.

23:24b.1CH.023.024 Ngabo abo oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, iintloko zezindlu zooyise ngokwababalwayo kubo, ngenani lamagama ngokweentloko zabo, besenza imisebenzi yenkonzo yendlu kaYehova, bethabathela kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.

23:25b.1CH.023.025 Ngokuba uDavide ubesithi, UYehova, uThixo kaSirayeli, ubaphumzile abantu bakhe; uhleli eYerusalem kude kuse ephakadeni.

23:26b.1CH.023.026 Kananjalo ke abaLevi akusafuneki ukuba bawuthwale umnquba, neempahla zawo zonke zenkonzo yawo.

23:27b.1CH.023.027 Ngokuba ngokwamazwi kaDavide okugqibela, babalwa oonyana bakaLevi, abathabathele kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.

23:28b.1CH.023.028 Ngokuba ukuma kwabo kwaba ngasesandleni soonyana baka-Aron, enkonzweni yendlu kaYehova ezintendelezweni, nasemagumbini, nasekuhlanjululweni kwezinto zonke ezingcwele, nasemsebenzini wenkonzo yendlu kaThixo:

23:29b.1CH.023.029 owezonka ezikrozileyo, nowomgubo ocoliweyo, nowomnikelo wokudla, nowezonkana ezisicaba ezingenagwele, nowezojiweyo ngepani, nowento ekroqiweyo, nowokulinganisa konke ngokukha nangobude;

23:30b.1CH.023.030 nowokuma imiso ngemiso, bebulela kuye, bemdumisa uYehova, besenjenjalo nangokuhlwa;

23:31b.1CH.023.031 nowokunyusa onke amadini anyukayo kuYehova ngesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo, ngenani ngokwesiko lazo, ngamaxesha onke, phambi koYehova;

23:32b.1CH.023.032 bagcine isigxina sentente yokuhlangana, nesigxina sengcwele, nesigxina soonyana baka-Aron, abazalwana babo, ukuba bakhonze endlwini kaYehova.

24

24:1b.1CH.024.001 Ke oonyana baka-Aron, amaqela abo ibingala: oonyana baka-Aron nguNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.

24:2b.1CH.024.002 Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koyise, bengenanyana; baba ngababingeleli ooElazare noItamare.

24:3b.1CH.024.003 Wabahlula uDavide: yanguTsadoki koonyana bakaElazare, yanguAhimeleki koonyana bakaItamare, ngodidi lwabo ekonzweni yabo.

24:4b.1CH.024.004 Bafumaneka oonyana bakaElazare bebaninzi ngokweentloko zamagorha, ngaphezu koonyana bakaItamare. Babenjenje ukubahlula: koonyana bakaElazare, iintloko zezindlu zooyise zaba lishumi elinantandathu; koonyana bakaItamare, zasibhozo ngokwezindlu zooyise.

24:5b.1CH.024.005 Babahlula ngamaqashiso, aba baba naba; ngokuba abaphathi bendawo engcwele nabaphathi bakaThixo bebengabakoonyana bakaElazare, naphakathi koonyana bakaItamare.

24:6b.1CH.024.006 UShemaya unyana kaNataniyeli umbhali, wakubaLevi, wababhala phambi kokumkani, nabathetheli, noTsadoki umbingeleli, noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, neentloko zezindlu zooyise kubabingeleli nakubaLevi; indlu yoyise inye iphuma noElazare, inye iphuma noItamare.

24:7b.1CH.024.007 Laphuma iqashiso lokuqala noYoyaribhi, elesibini noYidaya,

24:8b.1CH.024.008 elesithathu noHarim, elesine noSehorim,

24:9b.1CH.024.009 elesihlanu noMalekiya, elesithandathu noMiyamin,

24:10b.1CH.024.010 elesixhenxe noHakotse, elesibhozo noAbhiya,

24:11b.1CH.024.011 elesithoba noYeshuwa, eleshumi noShekaniya,

24:12b.1CH.024.012 eleshumi elinanye noEliyashibhi, eleshumi elinesibini noYakim,

24:13b.1CH.024.013 eleshumi elinesithathu noHupa, eleshumi elinesine noYeshebhabhi,

24:14b.1CH.024.014 eleshumi elinesihlanu noBhilega, eleshumi elinesithandathu noImere,

24:15b.1CH.024.015 eleshumi elinesixhenxe noHezire, eleshumi elinesibhozo noApitsetse,

24:16b.1CH.024.016 eleshumi elinesithoba noPetaya, elamashumi omabini noYehezekeli,

24:17b.1CH.024.017 elamashumi omabini analinye noYakin, elamashumi omabini anesibini noGamuli,

24:18b.1CH.024.018 elamashumi omabini anesithathu noDelaya, elamashumi omabini anesine noMahazeya.

24:19b.1CH.024.019 Lulo olo udidi lwabo, lwenkonzo yabo yokungena endlwini kaYehova, ngokwesiko labo elanikwa nguAron uyise, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli.

24:20b.1CH.024.020 Ke koonyana bakaLevi abaseleyo ngaba: koonyana baka-Amram nguShubhayeli; koonyana bakaShubhayeli nguYedeya.

24:21b.1CH.024.021 NgoRehabhiya: koonyana bakaRehabhiya, intloko nguIshiya.

24:22b.1CH.024.022 KumaItsare nguShelomoti; koonyana bakaShelomoti nguYahati.

24:23b.1CH.024.023 Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesine.

24:24b.1CH.024.024 Oonyana bakaUziyeli nguMika; koonyana bakaMika nguShamire.

24:25b.1CH.024.025 Umkhuluwa kaMika nguIshiya; koonyana bakaIshiya nguZekariya.

24:26b.1CH.024.026 Oonyana bakaMerari nguMali noMushi, oonyana bakaYahaziya unyana wakhe.

24:27b.1CH.024.027 Kwaoonyana bakaMerari ngooYahaziya unyana wakhe, noShoham, noSakure, noIbri.

24:28b.1CH.024.028 NgoMali kuvele uElazare, ongabanga nanyana.

24:29b.1CH.024.029 NgoKishe: oonyana bakaKishe nguYerameli.

24:30b.1CH.024.030 Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYerimoti. Ngabo abo oonyana babaLevi, ngokwezindlu zooyise.

24:31b.1CH.024.031 Babawisela amaqashiso nabo kwanjengabazalwana babo, oonyana baka-Aron, phambi koDavide ukumkani, noTsadoki, noAhimeleki, neentloko zezindlu zooyise zababingeleli nezabaLevi: iinkulu zezindlu zooyise kwanjengabaninawa babo.

25

25:1b.1CH.025.001 UDavide nabathetheli-mkhosi babahlulela inkonzo oonyana baka-Asafu noHeman noYedutun, baprofeta ngeehadi nangemirhubhe nangamacangci. Inani lawo la madoda asebenzela inkonzo yawo laba leli:

25:2b.1CH.025.002 Koonyana baka-Asafu: nguZakure, noYosefu, noNetaniya, noAsharela; oonyana baka-Asafu bephethwe nguAsafu, beprofeta, bephethwe ngokomyalelo wokumkani.

25:3b.1CH.025.003 KuYedutun: oonyana bakaYedutun nguGedaliya, noTseri, noYeshaya, noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu, bephethwe nguyise uYedutun, eprofeta ngohadi, ebulela edumisa uYehova.

25:4b.1CH.025.004 KuHeman: oonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noYerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMahaziyoti.

25:5b.1CH.025.005 Bonke aba babengoonyana kuHeman, imboni yokumkani emazwini kaThixo, ukuba aluphakamise uphondo. UThixo wamnika uHeman oonyana abalishumi elinabane, neentombi ezintathu.

25:6b.1CH.025.006 Bonke abo babephethwe nguyise ekuvumeni endlwini kaYehova, benamacangci, nemirhubhe, neehadi, bekhonza endlwini kaThixo, bephethwe ngokomyalelo wokumkani, noAsafu, noYedutun, noHeman.

25:7b.1CH.025.007 Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo.

25:8b.1CH.025.008 Bawisa amaqashiso esigxina: njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo.

25:9b.1CH.025.009 Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini; iqashiso lesibini noGedaliya: yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini;

25:10b.1CH.025.010 elesithathu noZakure: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;

25:11b.1CH.025.011 elesine noItseri: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:12b.1CH.025.012 elesihlanu noNetaniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:13b.1CH.025.013 elesithandathu noBhukiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:14b.1CH.025.014 elesixhenxe noYesharela: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:15b.1CH.025.015 elesibhozo noYeshaya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:16b.1CH.025.016 elesithoba noMataniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:17b.1CH.025.017 eleshumi noShimehi: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:18b.1CH.025.018 eleshumi elinanye noAzareli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:19b.1CH.025.019 eleshumi elinesibini noHashabhiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:20b.1CH.025.020 eleshumi elinesithathu noShubhayeli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:21b.1CH.025.021 eleshumi elinesine noMatitiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:22b.1CH.025.022 eleshumi elinesihlanu noYeromoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:23b.1CH.025.023 eleshumi elinesithandathu noHananiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:24b.1CH.025.024 eleshumi elinesixhenxe noYoshebhekasha: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:25b.1CH.025.025 eleshumi elinesibhozo noHanani; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;

25:26b.1CH.025.026 eleshumi elinesithoba noMaloti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:27b.1CH.025.027 elamashumi omabini noEliyata: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:28b.1CH.025.028 elamashumi omabini analinye noHotire; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:29b.1CH.025.029 elamashumi omabini anesibini noGidaleti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:30b.1CH.025.030 elamashumi omabini anesithathu noMahaziyoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhebaba lishumi elinababini;

25:31b.1CH.025.031 elamashumi omabini anesine noRomamti-ezere: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini.

26

26:1b.1CH.026.001 Ke amaqela abamasango: kumaKora yayinguMeshelemiya unyana kaKore, kubo oonyana baka-Asafu.

26:2b.1CH.026.002 KuMeshelemiya, oonyana yayingooZekariya owamazibulo, noYedihayeli owesibini, noZebhadiya owesithathu, noYateniyeli owesine,

26:3b.1CH.026.003 noElam owesihlanu, noYohanan owesithandathu, noEliyohenayi owesixhenxe.

26:4b.1CH.026.004 KuObhedi-edom, oonyana yayinguShemaya owamazibulo, noYozabhadi owesibini, noYowa owesithathu, noSakare owesine, noNataniyeli owesihlanu,

26:5b.1CH.026.005 noAmiyeli owesithandathu, noIsakare owesixhenxe, noPehuletayi owesibhozo; ngokuba uThixo ebemsikelele uObhedi-edom.

26:6b.1CH.026.006 Ke nakuShemaya, unyana wakhe, kwazalwa oonyana abalawula indlu kayise; ngokuba babengamagorha anobukroti.

26:7b.1CH.026.007 Oonyana bakaShemaya ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabazalwana bakhe, amadoda anobukroti, uElihu noSemakiya.

26:8b.1CH.026.008 Bonke abo bakoonyana bakaObhedi-edom, bona noonyana babo, nabazalwana babo, amadoda avileyo, enamandla enkonzweni, bebengamashumi amathandathu anababini kuObhedi-edom.

26:9b.1CH.026.009 UMeshelemiya ube enoonyana nabazalwana, amadoda anobukroti, ilishumi elinesibhozo.

26:10b.1CH.026.010 KwanoHosa, wakoonyana bakaMerari, ubenoonyana: inguShimri inkulu (ngokuba waye engengowamazibulo, noko ke uyise wamenza inkulu),

26:11b.1CH.026.011 noHilekiya owesibini, noTebhaliya owesithathu, noZekariya owesine; bebonke oonyana nabazalwana kuHosa baba lishumi elinabathathu.

26:12b.1CH.026.012 Loo maqela abamasango, iinkulu zamagorha, zaphathiswa izigxina kunye nabazalwana babo, ukuba balungiselele endlwini kaYehova.

26:13b.1CH.026.013 Bawisa amaqashiso, ngomncinane nangomkhulu ngokufanayo, ngokwezindlu zooyise, isango ngesango.

26:14b.1CH.026.014 Iqashiso elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Ke uZekariya unyana wakhe, umphakathi oqiqileyo, bamwisela amaqashiso, laphuma iqashiso lakhe lilelangasentla;

26:15b.1CH.026.015 elikaObhedi-edom laba lelangasezantsi; eloonyana bakhe laba lelovimba.

26:16b.1CH.026.016 ElooShupim noHosa laba lelangasentshonalanga, kunye nesango leShalekete emendweni onyukayo, umlindo umalunga nomlindo.

26:17b.1CH.026.017 Ngasempumalanga babebathandathu abaLevi; ngasentla bebane imihla ngemihla; ngasezantsi bebane imihla ngemihla; kovimba baba ngababini ngababini.

26:18b.1CH.026.018 Emaphandleni ngasentshonalanga babane emendweni, bababini ngaphandle.

26:19b.1CH.026.019 Ngawo lawo amaqela abamasango, koonyana bamaKora, nakoonyana bakaMerari.

26:20b.1CH.026.020 Ke abaLevi, abazalwana babo, baphatha ubuncwane bendlu kaThixo, nobuncwane bezinto ezingcwele.

26:21b.1CH.026.021 Oonyana bakaLadan, bengoonyana bamaGershon alunge kuLadan, iintloko zezindlu zooyise zakwaLadan umGershon: nguYehiyeli.

26:22b.1CH.026.022 Koonyana bakaYehiyeli, nguZetam noYoweli umninawa wakhe abaphethe ubuncwane bendlu kaYehova.

26:23b.1CH.026.023 Kuma-Amram, kumaItsare, kumaHebron, kumaUziyeli:

26:24b.1CH.026.024 uShebhuweli, unyana kaGershom unyana kaMoses, ebeyinganga yobuncwane.

26:25b.1CH.026.025 Abazalwana bakhe bakwaEliyezere nguRehabhiya unyana wakhe, noYeshaya, unyana wakhe, noYoram unyana wakhe, noZikri unyana wakhe, noShelomoti unyana wakhe.

26:26b.1CH.026.026 Lo Shelomoti nabazalwana bakhe baphathiswa bonke ubuncwane bezinto ezingcwele, abezingcwalisile uDavide ukumkani, neentloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomkhosi.

26:27b.1CH.026.027 Okwemfazwe nokwamaxhoba, kwangcwaliselwa ukuba kulungise indlu kaThixo.

26:28b.1CH.026.028 Zonke izinto abezingcwalisile uSamuweli imboni, noSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noYowabhi unyana kaTseruya, zonke izinto abezingcwalisile nabani, zaba phantsi kwesandla sikaShelomoti nabazalwana bakhe.

26:29b.1CH.026.029 KumaItsare, uKenaniya noonyana bakhe baphathiswa umsebenzi wangaphandle kwaSirayeli, wababhali nabagwebi.

26:30b.1CH.026.030 KumaHebron, uHashabhiya nabazalwana bakhe, amakroti aliwaka elinamakhulu asixhenxe, babephethe umsebenzi wokuvelela amaSirayeli anganeno kweYordan ngasentshonalanga, emsebenzini wonke kaYehova, nasenkonzweni yokumkani.

26:31b.1CH.026.031 KumaHebron uYeriya ebeyintloko (kumaHebron ngokweenzalo zawo ngokooyise. Ngomnyaka wamashumi omane wobukumkani bukaDavide, kwafunwa, kwafunyanwa kuwo amagorha anabukorti eYazere yaseGiliyadi).

26:32b.1CH.026.032 Nabazalwana bakhe, amakroti angamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, ooyise bezindlu, uDavide ukumkani wabenza abaphathi bamaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ezintweni zonke zikaThixo, nasezintweni zokumkani.

27

27:1b.1CH.027.001 Oonyana bakaSirayeli ngokwenani labo, iintloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nababhali babo, ababelungiselela kukumkani emicimbini yonke yamaqela ngamaqela: angenayo naphumayo iinyanga ngeenyanga, ezinyangeni zonke zomnyaka, liqela linye, lalingamashumi amabini anamane amawaka.

27:2b.1CH.027.002 Iqela lokuqala ngenyanga yokuqala laliphethwe nguYashobheham unyana kaZabhediyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka;

27:3b.1CH.027.003 koonyana bakaPeretse, ibinguye oyintloko yabathetheli bonke bemikhosi ngenyanga yokuqala.

27:4b.1CH.027.004 Iqela lenyanga yesibini laliphethwe nguDodayi umAhowa, inganga yeqela lakhe inguMikeloti; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:5b.1CH.027.005 Umthetheli wesithathu womkhosi ngenyanga yesithathu ibinguBhenaya, unyana kaYoyada umbingeleli, eyintloko; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:6b.1CH.027.006 Ngulo Bhenaya waye eligorha kumashumi amathathu, ephethe amashumi omathathu lawo; eqeleni lakhe inguAmizabhadi unyana wakhe.

27:7b.1CH.027.007 Owesine ngenyanga yesine ibinguAsaheli umninawa kaYowabhi, inguZebhadiya unyana wakhe emva kwakhe; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:8b.1CH.027.008 Owesihlanu umthetheli ngenyanga yesihlanu ibinguShamuti umIzra; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:9b.1CH.027.009 Owesithandathu ngenyanga yesithandathu ibinguIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:10b.1CH.027.010 Owesixhenxe ngenyanga yesixhenxe ibinguHeletse umPelon, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:11b.1CH.027.011 Owesibhozo ngenyanga yesibhozo ibinguSibhekayi umHusha, wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:12b.1CH.027.012 Owesithoba ngenyanga yesithoba ibinguAbhiyezere waseAnatoti, wakumaBhenjamin; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:13b.1CH.027.013 Oweshumi ngenyanga yeshumi ibinguMaharayi umNetofa wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:14b.1CH.027.014 Oweshumi elinamnye ngenyanga yeshumi elinanye ibinguBhenaya umPiraton, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:15b.1CH.027.015 Oweshumi elinesibini ngenyanga yeshumi elinesibini ibinguHeledayi umNetofa, kaOteniyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:16b.1CH.027.016 Ke izizwe zakwaSirayeli zaphathwa ngaba: kumaRubhen inganga ibinguEliyezere unyana kaZikri; kumaSimon nguShefatiya unyana kaMahaka;

27:17b.1CH.027.017 kubaLevi nguHashabhiya unyana kaKemuweli; kwa-Aron nguTsadoki;

27:18b.1CH.027.018 kwesakwaYuda nguElihu, wakubazalwana bakaDavide; kwesakwaIsakare nguOmri unyana kaMikayeli;

27:19b.1CH.027.019 kwesakwaZebhulon nguIshemaya unyana kaObhadiya; kwesakwaNafetali nguYerimoti unyana ka-Azeriyeli;

27:20b.1CH.027.020 koonyana bakaEfrayim nguHosheya unyana ka-Azaziya; kwisiqingatha sesizwe sikaManase nguYoweli unyana kaPedaya;

27:21b.1CH.027.021 kwisiqingatha sikaManase eGiliyadi nguIdo unyana kaZekariya; kwesakwaBhenjamin nguYahasiyeli unyana ka-Abhinere;

27:22b.1CH.027.022 kwesakwaDan nguAzareli unyana kaYeroham. Ngabo abathetheli bezizwe zakwaSirayeli.

27:23b.1CH.027.023 UDavide akalithabathanga inani labaminyaka imashumi mabini bezelwe, nabangaphantsi; ngokuba uYehova wathi uya kuwandisa amaSirayeli njengeenkwenkwezi zezulu.

27:24b.1CH.027.024 UYowabhi unyana kaTseruya walinga ukubala, akagqiba; afikelwa buburhalarhume amaSirayeli ngenxa yoko; alangeniswa inani engxelweni yemicimbi yemihla yokumkani uDavide.

27:25b.1CH.027.025 Obephethe ubuncwane bokumkani nguAzemavete unyana ka-Adiyeli; obephethe ubuncwane obukoovimba endle, nasemizini, nasemizaneni, nasezinqa beni ezinde, nguYonatan unyana kaUziya.

27:26b.1CH.027.026 Obephethe abenza umsebenzi wokulima amasimi nguEzeri unyana kaKelubhi.

27:27b.1CH.027.027 Obephethe izidiliya nguShimehi umRama. Obephethe izisele zewayini yasezidiliyeni nguZabhedi umShifemoti.

27:28b.1CH.027.028 Obephethe iminquma nemithombe ebisezintilini nguBhahali-hanan, umGedere. Obephethe izisele zeoli nguYowashe.

27:29b.1CH.027.029 Obephethe iinkomo ezidla eSharon nguShitrayi umSharon. Obephethe iinkomo ezisezintilini nguShafati unyana ka-Adelayi.

27:30b.1CH.027.030 Obephethe iinkamela nguObhili umIshmayeli. Obephethe iimazi zamaesile nguYedeya umMeronoti.

27:31b.1CH.027.031 Obephethe impahla emfutshane nguYazizi umHagri. Bonke abo bebengabaphathi beempahla ezizezokumkani uDavide.

27:32b.1CH.027.032 UYonatan, uyisekazi kaDavide, ube ngumphakathi, eyindoda enokuqonda, engumbhali yena. UYehiyeli unyana kaHakemon ubenoonyana bokumkani.

27:33b.1CH.027.033 UAhitofele ubengumphakathi wokumkani. UHushayi umArki ubelikholwane lokumkani.

27:34b.1CH.027.034 Emveni koAhitofele ibinguYehoyada unyana kaBhenaya, noAbhiyatare. Umthetheli-mkhosi wokumkani ibinguYowabhi.

28

28:1b.1CH.028.001 UDavide wababizela ndawonye bonke abathetheli bamaSirayeli, abathetheli bezizwe nabathetheli bamaqela ngamaqela abalungiselela ukumkani nabathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu, namagosa empahla yonke, nabemfuyo yokumkani neyoonyana bakhe, kunye nababusi namagorha, nento yonke eligorha elinobukroti, ukuba beze eYerusalem.

28:2b.1CH.028.002 Wesuka wema ngeenyawo uDavide ukumkani, wathi: Ndiphulaphuleni, bazalwana bam, bantu bam. Mna, kwaye kusentliziyweni yam ukuyakhela indlu yokuhlala ityeya yomnqophiso kaYehova, isihlalo seenyawo zikaThixo wethu, ndalungisela ukwakha;

28:3b.1CH.028.003 koko uThixo wathi kum, Uze ungalakheli ndlu igama lam, ngokuba uyindoda yemfazwe, uphalaze igazi elininzi.

28:4b.1CH.028.004 Ke wandinyula uYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini yonke kabawo, ukuba ndibe ngukumkani kumaSirayeli ngonaphakade; ngokuba unyule uYuda ukuba abe yinganga, endlwini kaYuda unyule indlu kabawo, koonyana bakabawo ukholwe ndim, ukuba andenze ukumkani kumaSirayeli onke.

28:5b.1CH.028.005 Nakoonyana bam bonke (ngokuba undinike oonyana abaninzi uYehova), unyule uSolomon unyana wam, ukuba ahlale etroneni yobukumkani bukaYehova kumaSirayeli.

28:6b.1CH.028.006 Wathi kum, USolomon, unyana wakho, nguye oya kwakha indlu yam neentendelezo zam; ngokuba ndizinyulele yena ukuba abe ngunyana kum, ndibe nguyise kuye mna;

28:7b.1CH.028.007 ndibuzinzise ubukumkani bakhe kude kuse ephakadeni, ukuba uthe waqinisela ukuyenza imithetho yam namasiko am, njengoko kunjalo namhla.

28:8b.1CH.028.008 Ngoko ke ndiyaniyala emehlweni amaSirayeli onke, ibandla likaYehova, nasezindlebeni zoThixo wethu: gcinani niquqele kuyo yonke imithetho kaYehova uThixo wenu, ukuze nilime eli lizwe lihle, nilishiye libe lilifa koonyana benu emva kwenu, kude kuse ephakadeni.

28:9b.1CH.028.009 Ke wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo; ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wofunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wokulahla mpela.

28:10b.1CH.028.010 Uze ulumke ke; ngokuba uYehova ukunyule ukuba wakhe indlu ibe yeyengcwele. Yomelela uyenze.

28:11b.1CH.028.011 UDavide wamnika uSolomon unyana wakhe isilinganiso sevaranda, nesezindlu zayo, nesoovimba bayo, nesamagumbi ayo aphezulu, nesamagumbi ayo aphakathi, nesendlu yokucamagusha;

28:12b.1CH.028.012 nesilinganiso seento zonke abenazo engcingeni yakhe: eseentendelezo zendlu kaYehova, nesamagumbi onke ngeenxa zonke, nesamagumbi obuncwane bendlu kaThixo, awobuncwane bezinto ezingcwele;

28:13b.1CH.028.013 nesamaqela ababingeleli nabaLevi, nesomsebenzi wonke wenkonzo yendlu kaYehova, neseempahla zonke zenkonzo yendlu kaYehova;

28:14b.1CH.028.014 nesezinto zegolide, ngokobunzima begolide yeempahla zonke zeenkonzo ngeenkonzo; neseempahla zonke zesilivere, ngokobunzima beempahla zonke zeenkonzo ngeenkonzo;

28:15b.1CH.028.015 nobunzima beziphatho zezibane zegolide, nobezibane zazo zegolide, ngokobunzima besiphatho ngesiphatho, nobezibane zazo; nobeziphatho zesilivere ngokobunzima besiphatho, nobezibane zazo, ngokwenkonzo yesiphatho ngesiphatho sezibane;

28:16b.1CH.028.016 negolide ngokobunzima beetafile zokucwangcisa izonka, betafile ngetafile, nesilivere yeetafile zesilivere.

28:17b.1CH.028.017 Wamnika nesilinganiso seefolokhwe, nesezitya zokutshiza, neseendebe zegolide ecocekileyo; neseendebe zegolide, ngokobunzima bendebe ngendebe neseendebe zesilivere ngokobunzima bendebe ngendebe;

28:18b.1CH.028.018 nesesibingelelo sesiqhumiselo segolide ehluziweyo, ngokobunzima; nesilinganiso senqwelo, seekerubhi zegolide, ezolula amaphiko azo, zisithelisa ityeya yomnqophiso kaYehova.

28:19b.1CH.028.019 Yonke loo nto, watsho uDavide, yonke imisebenzi yokulinganisa undiqondisile ngokubhala okuvela esandleni sikaYehova, seza phezu kwam.

28:20b.1CH.028.020 Wathi uDavide kuSolomon unyana wakhe, Yomelela ukhaliphe, wenze. Musa ukoyika, musa ukuqhiphuka umbilini; ngokuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya, ude uwugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yendlu kaYehova.

28:21b.1CH.028.021 Nanga ke amaqela ababingeleli, nawabaLevi bomsebenzi wonke wendlu kaThixo. Banawe kuwo wonke umsebenzi, bonke abaya kubunika ngokuqhutywa yintliziyo ubulumko bomsebenzi wonke; nabathetheli nabantu bonke bowaphulaphula amazwi akho onke.

29

29:1b.1CH.029.001 Wathi uDavide ukumkani kwibandla lonke, USolomon unyana wam, okuphela konyuliweyo nguThixo, mncinane, uthambile; ke umsebenzi mkhulu, ngokuba ibhotwe eli asilelomntu, lelikaYehova uThixo.

29:2b.1CH.029.002 Ke, ngamandla am onke indlu kaThixo wam ndiyilungisele igolide yezinto zegolide, isilivere yezesilivere, ubhedu lwezobhedu, isinyithi sezesinyithi, imithi yezemithi, namatye ebherilo, nafakwayo, namatye okuhombisa, naziimfakamfele, namatye onke anqabileyo, namatye emarmore emhlophe, into eninzi.

29:3b.1CH.029.003 Kananjalo ekubeni ilikholo kum indlu kaThixo wam, ndinenqobo yegolide nesilivere, endiyimisele indlu kaThixo wam, engaphandle kwayo yonke endiyilungisele indlu engcwele;

29:4b.1CH.029.004 amawaka amathathu eetalente zegolide yasegolideni yakwaOfire, amawaka asixhenxe eetalente zesilivere ehluziweyo yokwaleka iindonga zezindlu;

29:5b.1CH.029.005 ukuba ibe yeye zinto ngezinto zegolide, ibe yeyezinto ngezinto zesilivere, ibe yeyemisebenzi yonke yesandla seengcibi. Ngubani na ke oqhutywa yintliziyo ukuzimisela namhla kuYehova?

29:6b.1CH.029.006 Banikela ke ngokuqhutywa yintliziyo abathetheli bezindlu zooyise, nabathetheli bezizwe zakwaSirayeli, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, naba thetheli bomsebenzi wokumkani.

29:7b.1CH.029.007 Banikela kwinkozo yendlu kaThixo igolide yaziitalente ezingamawaka amahlanu needarike ezilishumi lamawaka; nesilivere yaziitalente ezingamawaka alishumi, nobhedu lwaziitalente ezingamawaka alishumi elinesibhozo, nesinyithi saziitalente ezingamawaka alikhulu.

29:8b.1CH.029.008 Abo ke, kwafumaneka kubo amatye anqabileyo, bawanikela ebuncwaneni bendlu kaYehova, esandleni sikaYehiyeli umGershom.

29:9b.1CH.029.009 Bakuvuyela abantu ukunikela kwabo ngokuqhutywa yintliziyo; ngokuba banikela ngokuqhutywa yintliziyo ephelelisileyo kuYehova. Kananjalo uDavide ukumkani wavuya ngovuyo olukhulu.

29:10b.1CH.029.010 UDavide wambonga uYehova phambi kwebandla lonke; wathi uDavide, Mawubongwe wena, Yehova, Thixo kaSirayeli, ubawo wethu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni.

29:11b.1CH.029.011 Bobakho, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho; bobakho, Yehova, ubukumkani; uphakamile wayintloko yeento zonke.

29:12b.1CH.029.012 Ubutyebi nozuko luvela kuwe, ulawula zonke izinto; asesandleni sakho amandla nobugorha; kusesandleni sakho ukukhulisa nokomeleza zonke izinto.

29:13b.1CH.029.013 Ke ngoko, Thixo wethu, sinokubulela kuwe, sidumise igama lakho elibekekileyo.

29:14b.1CH.029.014 Ngokuba ndingubani na mna, bangoobani na abantu bam, ukuba side sibe namandla okunika ngokuqhutywa yintliziyo njengoku? Ngokuba zivela kuwe zonke izinto; sikunika okuvele esandleni sakho.

29:15b.1CH.029.015 Ngokuba singabaphambukeli phambi kwakho, silundwendwe njengoobawo bethu bonke; injengesithunzi imihla yethu ehlabathini apha, kungekho themba lakuhlala.

29:16b.1CH.029.016 Yehova Thixo wethu, yonke le ngxokolo, siyilungisele ukulakhela indlu igama lakho elingcwele, ivela esandleni sakho, yeyakho yonke.

29:17b.1CH.029.017 Ndiyazi, Thixo wam, ukuba uyayicikida intliziyo; ukholiswa kokuthe tye. Mna ke, ekuthini tye kwentliziyo yam, ndizinike ngokuqhutywa yintliziyo zonke ezi zinto. Kaloku abantu bakho aba bakhoyo apha, ndibone ngovuyo benikela kuwe ngokuqhutywa yintliziyo.

29:18b.1CH.029.018 Yehova, Thixo ka-Abraham, noIsake, noSirayeli, oobawo bethu, kugcine ngonaphakade oko ekuyileni kweengcinga zeentliziyo zabantu bakho, uyibhekise kuwe intliziyo yabo;

29:19b.1CH.029.019 uSolomon unyana wam umnike intliziyo ephelelisileyo, yokugcina imithetho yakho, nezingqino zakho, nemimiselo yakho, ayenze yonke, alakhe eli bhotwe ndililungiseleleyo.

29:20b.1CH.029.020 Wathi uDavide kwibandla lonke, Khanibonge uYehova uThixo wethu. Labonga ke ibandla lonke uYehova uThixo wooyise, bathoba, baqubuda kuYehova nakukumkani.

29:21b.1CH.029.021 Babingelela kuYehova imibingelelo, banyusa amadini anyukayo kuYehova kwakusa ngengomso, iinkunzi ezintsha zeenkomo zaliwaka, iinkunzi zeegusha zaliwaka, iimvana zaliwaka, neminikelo yawo ethululwayo, nemibingelelo yoxolo emininzi, ngenxa yamaSirayeli onke.

29:22b.1CH.029.022 Badla basela ngaloo mini phambi koYehova ngovuyo olukhulu. USolomon unyana kaDavide bamenza ukumkani ngokwesibini; bamthambisa phambi koYehova ukuba abe yinganga, noTsadoki abe ngumbingeleli.

29:23b.1CH.029.023 Wahlala ke uSolomon etroneni kaYehova, engukumkani esikhundleni sikaDavide uyise, wanempumelelo; ambeka onke amaSirayeli.

29:24b.1CH.029.024 Bonke abathetheli, namagorha, kwanoonyana bonke bokumkani uDavide, basilulamela isandla sikaSolomon ukumkani.

29:25b.1CH.029.025 UYehova wamenza mkulu uSolomon, wamphakamisa emehlweni amaSirayeli onke, wamnika indili yobukumkani engabangakho kookumkani bonke bamaSirayeli ababengaphambi kwakhe.

29:26b.1CH.029.026 Ke kaloku uDavide, unyana kaYese, waye engukumkani wamaSirayeli onke.

29:27b.1CH.029.027 Imihla awaye engukumkani kumaSirayeli ibiyiminyaka emashumi mane; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe, eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.

29:28b.1CH.029.028 Wafa ke, eyingwevu enkulu, ehambisekile ebudaleni, enobutyebi nozuko; uSolomon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

29:29b.1CH.029.029 Izinto zikaDavide ukumkani, ezokuqala nezokuphela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaSamuweli imboni, nasemicimbini kaNatan umprofeti, nasemicimbini kaGadi imboni;

29:30b.1CH.029.030 kunye nobukumkani bakhe bonke, nobugorha bakhe, nezinto ezamhlelayo yena, namaSirayeli, nezikumkani zonke zamazwe.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. 1 Chronicles (Xhosa). 1 Chronicles (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C39A-E