2 Kings (Xhosa)
1
1:1b.2KI.001.001 Ke kaloku amaMowabhi akreqa kumaSirayeli emva kokufa kuka-Ahabhi.
1:2b.2KI.001.002 UAhaziya wawa efestileni yegumbi: lakhe eliphezulu elikwaSamari, wahliwa kukufa ke; wathuma abathunywa, wathi kubo, Hambani niye kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, ukuba ndiya kuphila na kwesi sifo.
1:3b.2KI.001.003 Ke isithunywa sikaYehova sasithethile kuEliya waseTishbhi, sathi, Suka, unyuke uye kukhawulela abathunywa bokumkani wakwaSamari, uthethe kubo, uthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto niya kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron?
1:4b.2KI.001.004 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Isingqengqelo eso, unyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa. Wahamba ke uEliya.
1:5b.2KI.001.005 Babuya abathunywa, beza kuye. Wathi kubo, Yini na ukuba nibuye?
1:6b.2KI.001.006 Bathi kuye, Kunyuke indoda, yeza kusikhawulela, yathi kuthi, Hambani nibuye, niye kukumkani lowo unithumileyo, nithethe kuye, nithi, Utsho uYehova ukuthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto uthumela ukuba kubuziswe kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron? Ngako oko isingqengqelo eso, unyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa.
1:7b.2KI.001.007 Wathetha kubo, wathi, Iluhlobo luni na indoda leyo inyukileyo yeza kunikhawulela, yathetha loo mazwi kuni?
1:8b.2KI.001.008 Bathi kuye, Yindoda engubo ixhonti, ebhinqe umbhinqo wentlonze esinqeni sayo. Wathi ke, NguEliya waseTishbhi.
1:9b.2KI.001.009 Ukumkani wathumela kuye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka weza kuye; nanko ke ehleli encotsheni yentaba. Wathetha kuye wathi, Mfo wakwaThixo, uthe ukumkani, Yihla.
1:10b.2KI.001.010 Waphendula uEliya, wathi kumthetheli-mashumi-mahlanu, Ukuba ke mna ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Kwehla ke umlilo ezulwini, wamdla yena namashumi omahlanu akhe.
1:11b.2KI.001.011 Wabuya wamthumela kuye omnye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka wathi kuye, Mfo wakwaThixo, utsho ukumkani ukuthi, Khawuleza uhle.
1:12b.2KI.001.012 Waphendula uEliya, wathi kubo, Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Wehla ke umlilo kaThixo ezulwini, wamdla yena namashumi omahlanu akhe.
1:13b.2KI.001.013 Wabuya wathuma owesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka ke owesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, waguqa ngamadolo phambi koEliya, watarhuzisa kuye, wathi kuye, Mfo wakwaThixo, mawunqabe emehlweni akho umphefumlo wam, nomphefumlo wabakhonzi bakho abamashumi mahlanu.
1:14b.2KI.001.014 Uyabona, kwehla umlilo ezulwini, wabadla abathetheli bobabini baloo mashumi angamahlanu, kunye namashumi omahlanu abo; ngoko ke mawunqabe emehlweni akho umphefumlo wam.
1:15b.2KI.001.015 Sathi isithunywa sikaYehova kuEliya, Yihla naye; musa ukumoyika. Wesuka ke, wehla, waya naye kukumkani.
1:16b.2KI.001.016 Wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uthumele abathunywa bokubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, kungabuziswa kuye? Ngako oko isingqengqelo eso, unyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa.
1:17b.2KI.001.017 Wafa ke ngokwelizwi likaYehova elathethwa nguEliya. UYehoram waba ngukumkani esikhundleni sakhe, ngomnyaka wesibini kaYehoram unyana kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda; ngokuba yena ebengenanyana.
1:18b.2KI.001.018 Ezinye izinto zika-Ahaziya awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
2
2:1b.2KI.002.001 Kwathi ekuza kumnyuseni kukaYehova uEliya ngomoya ovuthuzayo, ukuba aye emazulwini, wabe uEliya ehamba noElisha, besuka eGiligali.
2:2b.2KI.002.002 Wathi uEliya kuElisha, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eBheteli. Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Behla ke, baya eBheteli.
2:3b.2KI.002.003 Baphuma oonyana babaprofeti, ababeseBheteli, baya kuElisha, bathi kuye, Uyazi na kodwa ukuba namhlanje uyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.
2:4b.2KI.002.004 Wathi uEliya kuye, Elisha, khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eYeriko. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bangena ke eYeriko.
2:5b.2KI.002.005 Beza oonyana babaprofeti ababeseYeriko kuElisha, bathi kuye, Uyazi na kodwa ukuba namhla uyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.
2:6b.2KI.002.006 Wathi uEliya kuye, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eYordan. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bahamba ke bobabini.
2:7b.2KI.002.007 Kwahamba amadoda amashumi mahlanu koonyana babaprofeti, afika ema mgama malunga nabo. Bona bema bobabini ngaseYordan.
2:8b.2KI.002.008 UEliya wayithabatha ingubo yakhe enkulu, wayisonga, wabetha ngayo emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; bawela bobabini komile.
2:9b.2KI.002.009 Kwathi, xa bawelileyo, wathi uEliya kuElisha, Cela into, ndikwenzele, ndingekasuswa kuwe. Wathi uElisha, Mandizuze izahlulo ezibini zomoya wakho.
2:10b.2KI.002.010 Wathi, Ucele into enzima; kodwa ke ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe, koba njalo, ukuba akuthanga undibone, akuyi kuba njalo.
2:11b.2KI.002.011 Kwathi, besahamba, behamba bethetha, kwabonakala inqwelo yomlilo namahashe omlilo; yabahlula bobabini, wenyuka uEliya ngomoya ovuthuzayo, waya emazulwini.
2:12b.2KI.002.012 UElisha akukubona oko, wadanduluka, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli, nabamahashe ayo! Akaba sambona. Wazibamba ezakhe iingubo, wazikrazula zaziqwenga zibini;
2:13b.2KI.002.013 wayichola ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye; wabuya, wafika wema elunxwemeni lweYordan.
2:14b.2KI.002.014 Wayithabatha ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye, wabetha ngayo emanzini, wathi, Uphi na uYehova, uThixo kaEliya, yena kanye? Wabetha ke emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; wawela uElisha.
2:15b.2KI.002.015 Bambona oonyana babaprofeti ababeseYeriko malunga naye, bathi, Umoya kaEliya uhleli kuElisha. Baya kumkhawulela, baqubuda kuye.
2:16b.2KI.002.016 Bathi kuye, Yabona, kukho kubakhonzi bakho amadoda amashumi mahlanu anobukroti; makhe aye kuyifuna inkosi yakho, ukuba uMoya kaYehova akayifukulanga na, wayiphosa entabeni ethile, nokuba kusemfuleni othile. Wathi, Musani ukuwathuma.
2:17b.2KI.002.017 Bamjoka, wada waneentloni, wathi, Wathumeni. Bawathuma ke amadoda amashumi mahlanu; amfuna iintsuku ezintathu, akamfumana.
2:18b.2KI.002.018 Abuya eza kuye; waye eseYeriko, wathi kuwo, Ndibe ndingatshongo na kuni ukuthi, Musani ukuya?
2:19b.2KI.002.019 Athi amadoda aloo mzi kuElisha, Uyabona, ukuma kwalo mzi kuhle, njengoko ibonayo inkosi yethu; ke amanzi mabi, nalo mhlaba awuniki nto.
2:20b.2KI.002.020 Wathi, Ndiziseleni isitya esitsha, nigalele ityuwa kuso. Amzisela ke.
2:21b.2KI.002.021 Waphuma, waya apho aphuma khona amanzi, wayigalela kuwo ityuwa, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiwaphilisile la manzi; akusayi kuba saphuma kufa kuwo, nakunganiki.
2:22b.2KI.002.022 Aphila ke amanzi lawo unanamhla, ngokwelizwi likaElisha awalithethayo.
2:23b.2KI.002.023 Wenyuka apho waya eBheteli. Uthe xa anyuka ngendlela, kwaphuma usapho lwamgculela, lwathi kuye, Nyuka, nkqayindini! Nyuka, nkqayindini!
2:24b.2KI.002.024 Wabheka ngasemva, walubona, waluqalekisa egameni likaYehova. Kwaphuma iibherekazi zambini ehlathini, zabaqwenga abantwana abamashumi mane anababini kulo.
2:25b.2KI.002.025 Wesuka khona, waya entabeni yeKarmele; wesuka khona, wabuyela kwaSamari.
3
3:1b.2KI.003.001 Ke kaloku uYehoram, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, ngomnyaka weshumi elinesibhozo kaYehoshafati ukumkani wakwaYuda; waba neminyaka elishumi elinamibini engukumkani.
3:2b.2KI.003.002 Wenza okubi emehlweni kaYehova; kodwa akaba njengoyise nanjengonina; kuba wasisusa isimiso selitye sikaBhahali, awasenzayo uyise.
3:3b.2KI.003.003 Kodwa ke wanamathela ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; akatyeka kuzo.
3:4b.2KI.003.004 Ke kaloku uMesha, ukumkani wamaMowabhi, ubengumfuyi weegusha; emana embuyisela ukumkani wakwaSirayeli ngoboya bekhulu lamawaka eemvana, nekhulu lamawaka eenkunzi zeegusha.
3:5b.2KI.003.005 Kwathi ke akufa uAhabhi, wakreqa ukumkani wamaMowabhi kukumkani wamaSirayeli.
3:6b.2KI.003.006 Waphuma ke ukumkani uYehoram ngayo loo mini kwaSamari, wawabala onke amaSirayeli.
3:7b.2KI.003.007 Waya wathumela kuYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, esithi, Ukreqile kum ukumkani wakwaMowabhi; wohamba na nam siye kulwa namaMowabhi? Wathi, Ndonyuka ndiye; ndinjengoko unjalo; abantu bam banjengoko banjalo abantu bakho; amahashe am anjengoko anjalo amahashe akho.
3:8b.2KI.003.008 Wathi, Sonyuka ngayiphi na indlela? Wathi, Ngendlela ephuma entlango yakwaEdom.
3:9b.2KI.003.009 Wahamba ke ukumkani wakwaSirayeli, nokumkani wakwaYuda, nokumkani wakwaEdom. Bahamba ngendlela ezungulezayo iintsuku ezisixhenxe; awaba namanzi umkhosi kwaneenkomo ebezibalandela.
3:10b.2KI.003.010 Wathi ukumkani wamaSirayeli, Yeha, uYehova ubabizele aba kumkani bathathu, ukuba abanikele esandleni sikaMowabhi.
3:11b.2KI.003.011 Wathi uYehoshafati, Akukho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuYehova ngaye? Waphendula omnye wabakhonzi bokumkani wakwaSirayeli, wathi, Ukho apha uElisha, unyana kaShafati, obegalela amanzi ezandleni zikaEliya.
3:12b.2KI.003.012 Wathi uYehoshafati, Ilizwi likaYehova linaye. Behla ke baya kuye, ukumkani wakwaSirayeli, noYehoshafati, nokumkani wakwaEdom.
3:13b.2KI.003.013 Wathi ke uElisha kukumkani wamaSirayeli, Yintoni na enam nawe? Hamba uye kubaprofeti bakayihlo, nakubaprofeti bakanyoko. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuye, Hayi; ngokuba uYehova ubabizele aba kumkani bathathu, ukuba abanikele esandleni sikaMowabhi.
3:14b.2KI.003.014 Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimi phambi kwakhe, ndinge ndingakubheki, ndikubone, koko bendihlonele uYehoshafati, ukumkani wakwaYuda.
3:15b.2KI.003.015 Ndiziseleni ke ngoku umbethi-luhadi. Kwathi, xa umbethi-luhadi lo alubethayo, samfikela isandla sikaYehova.
3:16b.2KI.003.016 Wathi, Utsho uYehova ukuthi, Senzeni esi sihlambo sizale yimisele.
3:17b.2KI.003.017 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Aniyi kubona moya, aniyi kubona mvula; esi sihlambo ke siya kuzala amanzi, nisele nina, nemihlambi yenu, namaqegu enu.
3:18b.2KI.003.018 Loo nto ilula emehlweni kaYehova; uya kuwanikela namaMowabhi esandleni senu.
3:19b.2KI.003.019 Noyixabela yonke imizi enqatyisiweyo, nemizi yonke enyuliweyo, niyiwise yonke imithi emihle, niyidibelele yonke imithombo yamanzi, niwonakalise onke amasimi amahle ngamatye.
3:20b.2KI.003.020 Kwathi kusasa, xa kunyuswa umnikelo wokudla, nanko kusiza amanzi, evela ngendlela yakwaEdom, ilizwe lazala amanzi.
3:21b.2KI.003.021 Eva ke onke amaMowabhi ukuba benyukile ookumkani, besiza kulwa nawo, ahlaba umkhosi kwintanga yonke exhobayo nengaphezulu, ema emdeni.
3:22b.2KI.003.022 Avuka kusasa, ilanga lithe chapha emanzini; amaMowabhi awabona amanzi phambi kwawo, ebomvu njengegazi;
3:23b.2KI.003.023 athi, Ligazi le nto; ookumkani bachithene bodwa, babulalana. Nalo ke ixhoba, Mowabhi.
3:24b.2KI.003.024 Afika ke emkhosini wakwaSirayeli; asuka amaSirayeli, awaxabela amaMowabhi, asaba wona ebusweni bawo, alingenela ilizwe, ehamba ewaxabela amaMowabhi.
3:25b.2KI.003.025 Bayigungxula nemizi; emasimini onke amahle, elowo waphosa ilitye lakhe, bawazalisa, bayidibelela yonke imithombo yamanzi, bayiwisa yonke imithi emihle, kwada eKir-hareshete kwasala amatye ayo odwa; bayirhawula abasawuli, batsho kuyo.
3:26b.2KI.003.026 Wabona ukumkani wamaMowabhi, ukuba impi imkhulele, wathabathela kuye amadoda angamakhulu asixhenxe arhola ikrele, ukuba atyhudise, abheke kukumkani wakwaEdom; akaba nako.
3:27b.2KI.003.027 Wathabatha unyana wakhe wamazibulo, obeya kuba ngukumkani esikhundleni sakhe, wamnyusa waba lidini elinyukayo phezu kodonga. Afikelwa buburhalarhume obukhulu amaSirayeli. Ancothuka kuye, abuyela ezweni lawo.
4
4:1b.2KI.004.001 Ke kaloku umfazi othile kubafazi boonyana babaprofeti wakhala kuElisha, esithi, Umkhonzi wakho indoda yam ifile. Uyazi wena ukuba umkhonzi wakho lowo ebemoyika uYehova; ke umboleki-mali uze kubathabathela kuye oonyana bam bobabini, ukuba babe ngamakhoboka.
4:2b.2KI.004.002 Wathi uElisha kuye, Ndikwenzele ntoni na? Ndixelele, unantoni na endlwini? Wathi, Umkhonzazana wakho akananto endlwini, kuphela ligubu leoli.
4:3b.2KI.004.003 Wathi, Hamba uye kuzibolekela izitya ngaphandle, kubamelwane bakho bonke, izitya ezize; zingabi mbalwa;
4:4b.2KI.004.004 ungene, uzivalele wena noonyana bakho, uthululele kwezo zitya zonke, uzishenxise ezizeleyo.
4:5b.2KI.004.005 Wemka ke kuye, wazivalela, yena noonyana bakhe; bezisa kuye bona, wathulula yena.
4:6b.2KI.004.006 Kwathi, zakuzala izitya, wathi kunyana wakhe, Zisa esinye isitya kum. Wathi yena kuye, Akusekho sitya: yanqamka ke ioli.
4:7b.2KI.004.007 Waya waxelela umfo wakwaThixo; wathi yena, Hamba uye kuthengisa ngeoli leyo, uhlawule ityala lakho, uphile wena noonyana bakho ngeseleyo.
4:8b.2KI.004.008 Kwathi ngamhla uthile, uElisha wagqithela eShunem, apho kwaye kukho intokazi elinonokazi; yamzama ukuba adle isonka. Ubesithi, xa agqithayo, aphambukele khona ukuba adle isonka.
4:9b.2KI.004.009 Yathi endodeni yayo, Uyabona ke, ndiyaqonda ukuba lo mfo ungcwele wakwaThixo umana egqitha apha.
4:10b.2KI.004.010 Masenze eludongeni igunjana eliphezulu, simbekele khona isingqengqelo, netafile, nesihlalo, nesibane, angene khona akuphambukela kuthi.
4:11b.2KI.004.011 Kwathi ngamhla uthile waya khona, waphambukela egumbini elo liphezulu, walala khona.
4:12b.2KI.004.012 Wathi kuGehazi umfana wakwakhe, Biza lo mShunemekazi.
4:13b.2KI.004.013 Wambiza; wema phambi kwakhe. Wathi kuye, Khawuthi kuye, Uyabona, usinyamekele ngayo yonke le nyameko; unga ungenzelwa ntoni na ke? Unelizwi ongalenzelwayo na kukumkani, nokuba kukumthetheli-mkhosi? Wathi yena, Ndihleli phakathi kwabantu bakowethu.
4:14b.2KI.004.014 Wathi, Makenzelwe ntoni na? Wathi uGehazi, Inyaniso, akananyana; indoda yakhe yaluphele.
4:15b.2KI.004.015 Wathi, Mbize. Wambiza, wafika, wema emnyango.
4:16b.2KI.004.016 Wathi, Mayela neli xesha nyakenye uya kusingatha unyana. Wathi yena, Musa, nkosi yam, mfo wakwaThixo, musa ukuthetha amanga kumkhonzazana wakho.
4:17b.2KI.004.017 Wamitha ke loo mfazi, wazala unyana ngelo xesha limisiweyo lanyakenye, abelithethile uElisha kuye.
4:18b.2KI.004.018 Wakhula umntwana, kwathi ngamhla uthile, waphuma waya kuyise, kubavuni.
4:19b.2KI.004.019 Wathi kuyise, Intloko yam, intloko yam! Wathi kumfana, Mthwale, umse kunina.
4:20b.2KI.004.020 Wamthwala, wamsa kunina; wahlala emathangeni akhe, kwada kwasemini enkulu, waqhawuka ke.
4:21b.2KI.004.021 Wenyuka, wamlalisa esingqengqelweni somfo wakwaThixo, wamvalela, waphuma.
4:22b.2KI.004.022 Wabiza indoda yakhe, wathi, Khawundithumele omnye wakubafana, nenye yeemazi zamaesile, khe ndithi gxada, ndiye kumfo wakwaThixo, ndibuye ndibuye.
4:23b.2KI.004.023 Wathi yena, Yini na ukuba uhambe uye kuye namhla? Akuthwase nyanga, asiyisabatha. Wathi yena, Kulungile.
4:24b.2KI.004.024 Wayibopha imazi ye-esile, wathi kumfana lowo, Qhuba uhambe, musa ukuzibambezela ekukhweleni ngenxa yam, ndigatshonga kuwe.
4:25b.2KI.004.025 Wahamba wada weza kumfo wakwaThixo entabeni yeKarmele. Waza umfo wakwaThixo, akumbona esekude, wathi kuGehazi umfana, Nankuya laa mShunemekazi;
4:26b.2KI.004.026 khawugidime ngoku, umkhawulele, uthi kuye, Uhleli kakuhle na? Ihleli kakuhle na indoda yakho? Uhleli kakuhle na umntwana? Wathi, Kusahleliwe kakuhle.
4:27b.2KI.004.027 Akufika kumfo wakwaThixo entabeni, wambamba ngeenyawo. Wasondela uGehazi ukuba amsunduze; wathi umfo wakwaThixo, Myeke, ngokuba umphefumlo wakhe ukrakra; uYehova undifihlele, akandixelela.
4:28b.2KI.004.028 Wathi, Ndakha ndacela unyana yini na enkosini yam? Ndandingatshongo yini na ukuthi, Uze ungandilahlekisi?
4:29b.2KI.004.029 Wathi kuGehazi, Bhinqa isinqe sakho, uphathe umsimelelo wam esandleni sakho, uhambe. Ukuba uthe waqubisana nomntu, uze ungambulisi; ukuba uthe umntu wakubulisa, uze ungamphenduli; uze uwubeke umsimelelo wam phezu kobuso benkwenkwe leyo.
4:30b.2KI.004.030 Wathi unina wenkwenkwe, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Wesuka ke wamlandela.
4:31b.2KI.004.031 UGehazi wagqithela phambili kubo, wafika wawubeka umsimelelo phezu kobuso benkwenkwe; akwabakho lizwi, akwabakho kushukuma. Wabuya waya kumkhawulela, wamxelela, wathi, Inkwenkwe ayivukanga.
4:32b.2KI.004.032 Wafika uElisha endlwini; nantso inkwenkwe ifile, ilele esingqengqelweni sakhe.
4:33b.2KI.004.033 Wangena, waluvala ucango, bebobabini; wathandaza kuYehova.
4:34b.2KI.004.034 Wenyuka, walala phezu komntwana lowo, wabeka umlomo wakhe phezu komlomo wakhe, amehlo akhe phezu kwamehlo akhe, izandla zakhe phezu kwezandla zakhe, wazolula phezu kwakhe; yafudumala inyama yomntwana.
4:35b.2KI.004.035 Wabuya, wahamba endlwini, wasinga ngapha kwakanye, wasinga ngapha kwakanye, wenyuka wazolula phezu kwakhe. Yathimla inkwenkwe izihlandlo ezisixhenxe, yawavula inkwenkwe amehlo ayo.
4:36b.2KI.004.036 Wabiza uGehazi, wathi, Biza laa mShunemekazi. Wambiza. Weza ke kuye, wathi, Mthabathe unyana wakho.
4:37b.2KI.004.037 Weza, waziphosa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye, wamthabatha unyana wakhe, waphuma.
4:38b.2KI.004.038 Ke kaloku uElisha wabuya, waya eGiligali. Kwakukho indlala elizweni; oonyana babaprofeti babehleli phambi kwakhe. Wathi kumfana lowo, Beka imbiza enkulu eziko, ubaphekele ukudla oonyana babaprofeti.
4:39b.2KI.004.039 Waphuma omnye, waya kufuna imifuno endle; wafumana uthangazana, wakha amathangazana kulo; yazala ingubo yakhe. Wafika, wawaxabelela embizeni yokupheka; ngokuba babengawazi.
4:40b.2KI.004.040 Bawaphakela amadoda ukuba adle. Kwathi, xa akudlayo oko kudla, akhala wona, athi, Mfo wakwaThixo, kukho ukufa embizeni le. Akaba nako ukukudla.
4:41b.2KI.004.041 Wathi, Yizani nomgubo. Wawugalela embizeni, wathi, Baphakele abantu, badle; akwabakho nto imbi embizeni.
4:42b.2KI.004.042 Kwavela indoda eBhahali-shalisha, yamzisela umfo wakwaThixo ukudla okutsha: izonka zerhasi ezimashumi mabini, namakhweba engxoweni yakhe. Wathi, Nika abantu, badle.
4:43b.2KI.004.043 Wathi umlungiseleli wakhe, Ndothini na ukukubeka oku phambi kwekhulu lamadoda? Wathi, Nika abantu, badle; ngokuba utsho uYehova ukuthi, Baya kudla, bade bakushiye.
4:44b.2KI.004.044 Wabeka ke phambi kwabo; badla bakushiya, ngokwelizwi likaYehova.
5
5:1b.2KI.005.001 Ke kaloku uNahaman, umthetheli-mkhosi wokumkani wakwa-Aram, waye eyindoda enkulu enkosini yakhe, ebekekileyo; ngokuba uYehova wayewanike ama-Aram usindiso ngaye. Loo ndoda yabe iligorha, ilikroti, kodwa ineqhenqa.
5:2b.2KI.005.002 Ama-Aram ayephume aya kututa, athimba ezweni lakwaSirayeli intombazana; yasisicakakazi kumkaNahaman.
5:3b.2KI.005.003 Yathi kwinkosikazi yayo, Akwaba inkosi yam le ibiphambi komprofeti okwaSamari! Ubeya kuyiphilisa eqhenqeni layo.
5:4b.2KI.005.004 Waya wayixelela inkosi yakhe, wathi, Ithe yathi, yathi ukuthetha, intombi evela ezweni lakwaSirayeli.
5:5b.2KI.005.005 Wathi ukumkani wama-Aram, Hamba uye, ndomthumela incwadi ukumkani wakwaSirayeli. Wahamba, waphatha esandleni sakhe ishumi leetalente zesilivere, namawaka amathandathu eeshekele zegolide, neshumi leengubo zokukhululana.
5:6b.2KI.005.006 Wayizisa incwadi kukumkani wakwaSirayeli, isithi, Kaloku ke, ekufikeni kwale ncwadi kuwe, yabona, ndikuthumele uNahaman umkhonzi wam, ukuba umphilise eqhenqeni lakhe.
5:7b.2KI.005.007 Kwathi, akuyilesa ukumkani wakwaSirayeli incwadi, wazikrazula iingubo zakhe, esithi, NdinguThixo yini na, ukuba ndibulale, nokuba ndiphilise, ngokuba lo uthumele kum, ukuba ndiphilise indoda eqhenqeni layo. Khangelani ke, nibone, ukufuna kwakhe isizathu sokuxabana nam.
5:8b.2KI.005.008 Kwathi, akuva uElisha, umfo wakwaThixo, ukuba ukumkani wakwaSirayeli uzikrazule iingubo zakhe, wathumela kukumkani wathi, Uzikrazulele ntoni na iingubo zakho? Makeze kum, azi ukuba kukho umprofeti kwaSirayeli.
5:9b.2KI.005.009 Weza uNahaman namahashe akhe neenqwelo zakhe, wamisa emnyango endlwini kaElisha.
5:10b.2KI.005.010 UElisha wathuma umthunywa kuye, esithi, Yiya uhlambe izihlandlo ezisixhenxe eYordan, ibuyele kuwe inyama yakho, uhlambuluke.
5:11b.2KI.005.011 Waba noburhalarhume uNahaman, wemka, wathi, Bonani, bendiba mna wophuma eze kum, eme anqule igama likaYehova uThixo wakhe, awangawangise isandla sakhe phezu kwale ndawo, alisuse iqhenqa.
5:12b.2KI.005.012 IAbhana neFarpare, imilambo yaseDamasko, ayilungile na, ngaphezu kwamanzi onke akwaSirayeli? Andingehlambi kuyo na, ndihlambuluke? Wajika, wahamba engumlilo.
5:13b.2KI.005.013 Bafika abakhonzi bakhe, bathetha naye, bathi, Bawo, ukuba umprofeti ubethethe into enkulu kuwe, ubungayi kuyenza yini na? Kangakanani na ke xa athi kuwe, Hlamba, uhlambuluke?
5:14b.2KI.005.014 Wehla ke, wantywila izihlandlo ezisixhenxe eYordan, ngokwelizwi lomfo wakwaThixo; yabuya ke inyama yakhe, yanjengenyama yomntwana, wahlambuluka.
5:15b.2KI.005.015 Wabuyela kumfo wakwaThixo, yena nesihlwele sakhe sonke, weza, wema phambi kwakhe, wathi, Uyabona, ndiyaqonda ngoku ukuba akukho Thixo ehlabathini lonke, kukwaSirayeli kodwa; kaloku khawamkele intsikelelo kumkhonzi wakho.
5:16b.2KI.005.016 Wathi yena, Ehleli nje uYehova, endimi phambi kwakhe, andiyi kuyamkela. Wamjoka, ukuba ayamkele; akavuma.
5:17b.2KI.005.017 Wathi uNahaman, Umkhonzi wakho akangekhe anikwe na ke umhlaba ongumthwalo woondlebende ababini? Ngokuba umkhonzi wakho akasayi kuba senza dini linyukayo nambingelelo thixweni bambi; uya kwenza kuYehova yedwa.
5:18b.2KI.005.018 Kule nto uYehova aze amxolele umkhonzi wakho: yakungena inkosi yam endlwini kaRimon, ukuba iqubude khona, yayame esandleni sam, nam ndaqubuda endlwini kaRimon: ekuqubudeni kwam ke endlwini kaRimon, aze uYehova amxolele umkhonzi wakho kuloo nto.
5:19b.2KI.005.019 Wathi kuye, Hamba unoxolo. Wemka kuye, wee qelele umganyana.
5:20b.2KI.005.020 Wathi uGehazi, umkhonzi kaElisha umfo wakwaThixo, Yabona, inkosi yam imyekile uNahaman umAram lo, ayayamkela esandleni sakhe into abeyizisile; ehleli nje uYehova, inene, ndiya kumsukela, ndithabathe intwana kuye.
5:21b.2KI.005.021 UGehazi wamphuthuma uNahaman. UNahaman wambona emsukela, wehla enqwelweni yakhe, eya kumkhawulela, wathi, Kuhle ntoni na?
5:22b.2KI.005.022 Wathi, Akukho nto. Inkosi yam indithumile, isithi, Nanku, kufike kum ngoku amadodana amabini akoonyana babaprofeti, evela kweleentaba lakwaEfrayim; khawuwanike italente yesilivere, neengubo ezimbini zokukhululana.
5:23b.2KI.005.023 Wathi uNahaman, Makukholeke kuwe ukuthabatha zibe mbini iitalente. Wamjoka, wabopha iitalente zambini zesilivere ezingxoweni ezimbini, neengubo ezimbini zokukhululana, wanika abafana ababini; bathwala phambi kwakhe.
5:24b.2KI.005.024 Uthe akufika endulini, wazithabatha ezandleni zabo, wazibeka endlwini, wawandulula amadoda lawo emka.
5:25b.2KI.005.025 Waya, wema phambi kwenkosi yakhe. Wathi uElisha kuye, Uvela phi na, Gehazi? Wathi, Ubengayanga ndawo umkhonzi wakho.
5:26b.2KI.005.026 Wathi kuye, Intliziyo yam ayihambanga nawe yini na, okuya yajikayo indoda enqwelweni yayo, yeza kukukhawulela? Lixesha yini na eli lokwamkela isilivere, nelokwamkela iingubo, neminquma, nezidiliya, nempahla emfutshane, neenkomo, nabakhonzi, nabakhonzazana?
5:27b.2KI.005.027 Iqhenqa likaNahaman malinamathele kuwe nakwimbewu yakho ngonaphakade. Waphuma ebusweni bakhe eneqhenqa, emhlophe njengekhephu.
6
6:1b.2KI.006.001 Bathi oonyana babaprofeti kuElisha, Khawubone le ndawo, sihleli kuyo phambi kwakho; sixinene kuyo.
6:2b.2KI.006.002 Makhe siye eYordan, sizithabathele khona elowo umqadi ube mnye, sizenzele khona indawo yokuhlala. Wathi, Yiyani.
6:3b.2KI.006.003 Wathi omnye, Makukholeke kuwe ukuhamba nabakhonzi bakho. Wathi, Ndiya kuhamba.
6:4b.2KI.006.004 Wahamba nabo. Bathi bakufika eYordan, bagawula imithi.
6:5b.2KI.006.005 Kwathi, omnye ewisa umqadi, intsimbi yeyela emanzini; wakhala, wathi, Yoo, nkosi yam! ibibolekiwe.
6:6b.2KI.006.006 Wathi umfo wakwaThixo, Iwe phi na? Wambonisa loo ndawo. Wanqumla uluthi, waluphosa khona. Yadada intsimbi.
6:7b.2KI.006.007 Wathi, Yithabathe. Wasolula isandla sakhe, wayithabatha.
6:8b.2KI.006.008 Ke kaloku ukumkani wama-Aram wayesilwa namaSirayeli, wacebisana nabakhonzi bakhe, esithi, Kuya kuba sekuthini, nasekuthini, apho ndolalisa khona.
6:9b.2KI.006.009 Wathumela umfo wakwaThixo kukumkani wakwaSirayeli, esithi, Zigcine, ungegqithi kulaa ndawo; ngokuba ama-Aram ehla khona.
6:10b.2KI.006.010 Ukumkani wamaSirayeli wathumela kuloo ndawo, abemxelele yona umfo wakwaThixo, embonisa; wazikhusela khona, akwaba kanye nakabini.
6:11b.2KI.006.011 Yabhabhama intliziyo yokumkani wakwa-Aram yiloo nto; wabiza abakhonzi bakhe, wathi kubo. Anindixeleli na ukuba ngubani na kuthi apha, ongakukumkani wakwaSirayeli?
6:12b.2KI.006.012 Wathi omnye wakubakhonzi bakhe, Asisithi, nkosi yam kumkani; ke nguElisha, umprofeti okwaSirayeli, oxelela ukumkani wamaSirayeli amazwi owathetha usengontsini yakho yokulala.
6:13b.2KI.006.013 Wathi, Yiyani, nikhangele apho akhona; ndithumele, ndimthabathe. Waxelelwa kwathiwa, Nanko eDotan.
6:14b.2KI.006.014 Wathumela khona amahashe, neenqwelo zokulwa, nempi eninzi; baya ebusuku, bawungqinga umzi.
6:15b.2KI.006.015 Wavuka kusasa umlungiseleli womfo wakwaThixo, wesuka waphuma, nantso impi iwujikelezile umzi, inamahashe neenqwelo zokulwa. Wathi umfana lowo kuye, Yoo, nkosi yam, siya kuthini na?
6:16b.2KI.006.016 Wathi yena, Musa ukoyika; ngokuba baninzi abangakuthi, ngaphezu kwabangakubo.
6:17b.2KI.006.017 Wathandaza uElisha, wathi, Yehova, khawuwavule amehlo akhe, abone. UYehova wawavula amehlo omfana lowo, wabona, nantso intaba izele ngamahashe neenqwelo zokulwa zomlilo, zimjikelezile uElisha.
6:18b.2KI.006.018 Behla baya kuye, wathandaza uElisha kuYehova, wathi, Khawulubethe olu hlanga ngobumfama. Wababetha ke ngobumfama, ngokwelizwi likaElisha.
6:19b.2KI.006.019 Wathi uElisha kubo, Asiyiyo indlela le, asinguwo umzi lo; ndilandeleni, ndinise kuloo ndoda niyifunayo; wabasa kwaSamari.
6:20b.2KI.006.020 Kwathi, bakufika kwaSamari, wathi uElisha, Yehova, wavule amehlo aba bantu, babone. Wawavula uYehova amehlo abo, babona. Nanku, bephakathi komzi wakwaSamari.
6:21b.2KI.006.021 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuElisha, akubabona, Ndibaxabele na, ndibaxabele na, bawo?
6:22b.2KI.006.022 Wathi yena, Uze ungabaxabeli. Obathimbileyo ngekrele lakho nesaphetha sakho ubungabaxabelayo na? Beka isonka namanzi phambi kwabo, badle, basele, bahambe, baye enkosini yabo.
6:23b.2KI.006.023 Wabenzela isidlo esikhulu; badla basela; wabandulula, bahamba baya enkosini yabo. Akaba saphinda amatutu ama-Aram ukulingena ilizwe lamaSirayeli.
6:24b.2KI.006.024 Kwathi emva koko, wayihlanganisa uBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, yonke impi yakhe, wenyuka wawungqinga umzi wakwaSamari.
6:25b.2KI.006.025 Kwabakho ke indlala enkulu kwaSamari. Yabona, bawungqinga ke, yada intloko ye-esile yathengiswa ngamashumi osibhozo eeshekele zesilivere, nesahlulo sesine sekabhe yendlelo yamavukuthu saba sisihlanu sesilivere.
6:26b.2KI.006.026 Kwathi, edlula ukumkani wakwaSirayeli phezu kodonga, intokazi yamemeza kuye, isithi, Sindisa, nkosi yam, kumkani.
6:27b.2KI.006.027 Wathi yena, Engakusindisi nje uYehova, ndokusindisa ngantoni na mna? ngesanda, ngesixovulelo sediliya, kusini na?
6:28b.2KI.006.028 Wathi ukumkani kuyo, Uhlelwe yintoni na? Wathi, Lo mfazi uthe kum, Ndinike unyana wakho, sidle yena namhla, sidle unyana wam ngomso.
6:29b.2KI.006.029 Sampheka ke unyana wam, samdla; ndathi kuye ngomhla olandelayo, Ethe unyana wakho, simdle; wamzimeza unyana wakhe.
6:30b.2KI.006.030 Kwathi, akuweva ukumkani amazwi entokazi leyo, wazikrazula iingubo zakhe; wayedlula phezu kodonga. Bakhangela abantu, nanko eneengubo ezirhwexayo ngaphantsi kwezinye enyameni yakhe.
6:31b.2KI.006.031 Wathi, Makenjenje kum uThixo, aqokele ukwenjenje, ukuba intloko kaElisha, unyana kaShafati, iya kuma phezu kwakhe namhla.
6:32b.2KI.006.032 UElisha ke ubehleli endlwini yakhe, namadoda amakhulu ebehleli naye. Ukumkani wathuma indoda ebusweni bakhe. Engekafiki umthunywa lowo kuye, wathi yena kumadoda amakhulu, Niyabona na, ukubo lo nyana wombulali uthumele ukuba ndisuswe intloko? Niyabona, akufika umthunywa lowo, luvaleni ucango, nimtyhale ngocango; naso isingqi seenyawo zenkosi yakhe sisemva kwakhe.
6:33b.2KI.006.033 Esathetha nawo, nanko umthunywa lo esihla esiza kuye. Wathi ukumkani, Yabona, obu bubi buphuma kuYehova; ndisamlindele ngani na uYehova?
7
7:1b.2KI.007.001 Wathi uElisha, Liveni ilizwi likaYehova. Utsho uYehova ukuthi, Eli xa ngomso iseha yomgubo ocoliweyo yoba yishekele, neeseha zombini zerhasi zoba yishekele esangweni lakwaSamari.
7:2b.2KI.007.002 Wamphendula umfo wakwaThixo umphathi-mkhosi, abesayama esandleni sakhe ukumkani, wathi, Yabona, khona ukuba uYehova wenze iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Wathi yena, Khangela, uya kuyibona loo nto ngamehlo akho, ungadli kuyo.
7:3b.2KI.007.003 Ke kaloku kwakukho amadoda amane aneqhenqa ngaphandle kwesango. Yathi enye kwenye, Sihlaleleni na apha, side sife?
7:4b.2KI.007.004 Ukuba sithe, masingene kulo mzi, kukho indlala kuwo umzi lo, siya kufa khona; ukuba sithe sahlala apha, siya kufa. Kaloku ke masihambe, sizilahlele emkhosini wama-Aram. Ukuba athe asisindisa, sodla ubomi; ukuba athe asibulala, hayi ke, siya kufa.
7:5b.2KI.007.005 Asuka ngongcwalazi, aya eminqubeni yama-Aram, ada afika ekupheleni kweminquba yama-Aram. Yini le? Kusenxiweni.
7:6b.2KI.007.006 Kuba iNkosi yayiwenze umkhosi wama-Aram ukuba uve isandi seenqwelo zokulwa, isandi samahashe, nesandi sempi enkulu. Bathi omnye komnye, Niyabona, ukumkani wamaSirayeli usiqeshele ookumkani bamaHeti nookumkani bamaYiputa, ukuba basiwele.
7:7b.2KI.007.007 Besuka ke, basaba ngongcwalazi, bazishiya iintente zabo, namahashe abo, namaesile abo eminqubeni, injengoko ibinjalo; basabisa ubomi babo.
7:8b.2KI.007.008 Afika ke loo madoda aneqhenqa ekupheleni kweminquba, angena kwenye intente, adla, asela, athabatha apho isilivere negolide neengubo, aya kuziqhusheka; abuya, angena kwenye intente, athabatha nakhona, aya kuqhusheka.
7:9b.2KI.007.009 Yathi enye kwenye, Asilungisi; le mini yimini yeendaba ezilungileyo, sithe cwaka nje; ukuba silinde kwada kwasa, siya kuzeka ityala. Hambani ke ngoko, siye sixele endlweni yokumkani.
7:10b.2KI.007.010 Afika, abiza umlindi wesango lomzi, amxelela, athi, Sifike eminqubeni yama-Aram, nanko kungekho mntu khona, nazwi lamntu, kuphela ingamahashe abotshelelweyo namaesile abotshelelweyo, neentente zinjengoko bezinjalo.
7:11b.2KI.007.011 Bamemeza abalindi-masango omzi; baxelela indlu yokumkani ngaphakathi.
7:12b.2KI.007.012 Wavuka ukumkani ebusuku, wathi kubakhonzi bakhe, Makhe ndinixelele into ayenzileyo kuthi ama-Aram. Ayazi ukuba silambile; aphumile eminqubeni, aya kuzimela endle, esithi, Bothi bakuphuma kuwo umzi, sibabambe behleli, singene kuwo umzi.
7:13b.2KI.007.013 Waphendula omnye wakubakhonzi bakhe, wathi, Makhe kuthatyathwe abe mahlanu kumahashe aseleyo, la aseleyo phakathi komzi (yabona, anjengengxokolo yonke yamaSirayeli eseleyo kuwo; yabona, anjengengxokolo yonke yakwaSirayeli ephelileyo), siwathume sibone.
7:14b.2KI.007.014 Kwathatyathwa iinqwelo ezimbini zokulwa ezinamahashe, waphuthumisa ukumkani emva komkhosi wama-Aram, wathi, Hambani niye kubona.
7:15b.2KI.007.015 Bawaphuthuma, bada baya eYordan; nantso indlela yonke izele ziingubo neempahla, abezilahlile ama-Aram ekubalekeni kwawo buphuthuphuthu. Babuya abathunywa abo, bamxelela ukumkani.
7:16b.2KI.007.016 Baphuma ke abantu, bayiphanga iminquba yama-Aram. Yathi iseha yomgubo ocoliweyo yayeyeshekele, iiseha ezimbini zerhasi zazezeshekele, ngokwelizwi likaYehova.
7:17b.2KI.007.017 Ukumkani wamphathisa isango umphathi-mkhosi abesayama esandleni sakhe. Bamnyathela abantu esangweni, wafa, njengoko wakuthethayo umfo wakwaThixo, owathetha ekuhleni kokumkani, esiza kuye.
7:18b.2KI.007.018 Kwenzeka ke njengoko wakuthethayo umfo wakwaThixo kukumkani, esithi, Iiseha ezimbini zerhasi zoba zezeshekele, iseha yomgubo ocoliweyo yoba yeyeshekele, eli xa ngomso, esangweni lakwaSamari;
7:19b.2KI.007.019 ukuze amphendule umphathi-mkhosi lowo umfo wakwaThixo, esithi, Yabona, khona ukuba uYehova wenze iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Ukuze athi ke yena, Khangela, uya kuyibona ngamehlo akho, ungadli kuyo.
7:20b.2KI.007.020 Kwaba njalo ke kuye; bamnyathela abantu esangweni, wafa.
8
8:1b.2KI.008.001 Ke, uElisha wayethethile kwintokazi leyo, wayephilise unyana wayo, esithi, Suka uhambe, wena nendlu yakho, uphambukele apho ungaphambukela khona; ngokuba uYehova ubize indlala; kananjalo iya kulifikela ilizwe iminyaka esixhenxe.
8:2b.2KI.008.002 Yayisukile ke intokazi leyo, yenza ngokwelizwi lomfo wakwaThixo, yahamba yona nendlu yayo, yaphambukela ezweni lamaFilisti iminyaka esixhenxe.
8:3b.2KI.008.003 Ke kaloku kwathi ekupheleni kweminyaka esixhenxe leyo, yabuya loo ntokazi ezweni lamaFilisti; yaphuma yaya kuzibika ngendlu yayo nentsimi yayo kukumkani.
8:4b.2KI.008.004 Ke kaloku ukumkani ubethetha noGehazi, umkhonzi womfo wakwaThixo, esithi, Khawundibalisele zonke izinto ezinkulu azenzileyo uElisha.
8:5b.2KI.008.005 Kwathi, esamxelela ukumkani ukuphilisa kwakhe umntu owayeselefile, kwabonakala laa ntokazi, abephilise unyana wayo, izibika ngendlu yayo nentsimi yayo kukumkani. Wathi uGehazi, Nkosi yam, kumkani, yiloo ntokazi ke le, nguloo nyana wayo waphiliswayo nguElisha ke lo.
8:6b.2KI.008.006 Wayibuza ukumkani intokazi leyo; yamxelela. Ukumkani wayinika umbusi othile, wathi, Yibuyisele zonke izinto zayo, nokutya konke kwentsimi yayo, kuthabathela kwimini eyemka ngayo kweli lizwe, kuzise nakweli xesha langoku.
8:7b.2KI.008.007 Weza uElisha eDamasko. UBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, waye esifa. Kwathiwa kuye, Umfo wakwaThixo ufikile apha.
8:8b.2KI.008.008 Wathi ukumkani lowo kuHazayeli, Phatha umnikelo ngesandla sakho, uye kumkhawulela umfo wakwaThixo lowo, ubuzise kuYehova ngaye, uthi, Ndiya kuphila na kwesi sifo?
8:9b.2KI.008.009 UHazayeli waya kumkhawulela, waphatha umnikelo ngesandla sakhe, nento yonke elungileyo yaseDamasko, imithwalo yeenkamela ezimashumi mane. Waya, wema phambi kwakhe, wathi, Unyana wakho uBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, undithumele kuwe, esithi, Ndiya kuphila na kwesi sifo ndinaso?
8:10b.2KI.008.010 Wathi uElisha kuye, Hamba uye kuthi, Ungaphila; koko uYehova undibonisile ukuba, inene, uya kufa.
8:11b.2KI.008.011 Wamkhangela, wamthi ntsho, wada waneentloni; walila umfo wakwaThixo.
8:12b.2KI.008.012 Wathi uHazayeli, Ililelani na inkosi yam? Wathi, Kungokuba ndibazi ububi oya kubenza koonyana bakaSirayeli; uya kuzitshisa ngomlilo iinqaba zabo, uwabulale amadodana abo ngekrele, ubatyumze abantwana babo, ubaqangqulule abafazi babo abamithiyo.
8:13b.2KI.008.013 Wathi uHazayeli, Uyintoni na umkhonzi wakho, eyinja nje, ukuba ade enze loo nto ingako? Wathi uElisha, UYehova undibonisile, ukuba uya kuba ngukumkani wakwa-Aram wena.
8:14b.2KI.008.014 Wemka kuElisha, waya enkosini yakhe. Yathi kuye, Utheni na uElisha kuwe? Wathi, Uthe kum, Inene, uya kuphila.
8:15b.2KI.008.015 Kwathi ngengomso wathabatha ingcawa, wayithi nkxu emanzini, wayaneka ebusweni bayo; yafa. UHazayeli waba ngukumkani esikhundleni sayo.
8:16b.2KI.008.016 Ke kaloku ngomnyaka wesihlanu kaYehoram, unyana ka-Ahabhi ukumkani wamaSirayeli (uYehoshafati engukumkani wamaYuda), waba ngukumkani uYehoram, unyana kaYehoshafati ukumkani wamaYuda.
8:17b.2KI.008.017 Ebeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe, waba neminyaka esibhozo engukumkani eYerusalem.
8:18b.2KI.008.018 Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli, njengoko yenza ngako indlu ka-Ahabhi; ngokuba intombi ka-Ahabhi yayingumkakhe; wenza okubi emehlweni kaYehova.
8:19b.2KI.008.019 Noko uYehova ebengavumi ukulonakalisa elakwaYuda, ngenxa kaDavide umkhozi wakhe; njengoko wathethayo kuye, wathi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.
8:20b.2KI.008.020 Ngemihla yakhe akreqa amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda, azenzela ukumkani.
8:21b.2KI.008.021 Wagqitha uYehoram, waya eTsahira, eneenqwelo zonke zokulwa. Wavuka ebusuku, wawaxabela amaEdom awayemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa; basaba abantu, baya ezintenteni zabo.
8:22b.2KI.008.022 Akreqa ke amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda unanamhla. Yaza yakreqa iLibhena kwangelo xesha.
8:23b.2KI.008.023 Ezinye izinto zikaYoram, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
8:24b.2KI.008.024 UYoram walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide, uAhaziya unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
8:25b.2KI.008.025 Ngomnyaka weshumi elinesibini kaYoram unyana ka-Ahabhi, ukumkani wamaSirayeli, waba ngukumkani uAhaziya, unyana kaYehoram ukumkani wamaYuda.
8:26b.2KI.008.026 UAhaziya ebeminyaka imashumi mabini namibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba mnyaka mnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguAtaliya, intombi kaOmri ukumkani wamaSirayeli.
8:27b.2KI.008.027 Wahamba ngendlela yendlu ka-Ahabhi, wenza okubi emehlweni kaYehova ngokwendlu ka-Ahabhi; ngokuba ebengumyeni wakwa-Ahabhi.
8:28b.2KI.008.028 Wahamba noYoram, unyana ka-Ahabhi, waya kulwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram eRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram amngxwelerha uYoram.
8:29b.2KI.008.029 Wabuya uYoram ukumkani, waya kunyangwa eYizereli loo manxeba wawafumanayo kuma-Aram eRama, ekulweni kwakhe noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wehla uAhaziya, unyana kaYehoram ukumkani wamaYuda, esiya kumbona uYoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, ngokuba ebengxwelerhiwe.
9
9:1b.2KI.009.001 Ke uElisha umprofeti wabiza omnye koonyana babaprofeti, wathi kuye, Bhinqa isinqe sakho, uphathe eli gutyana leoli ngesandla sakho, uye eRamoti yaseGiliyadi;
9:2b.2KI.009.002 ungene khona, ukhangele khona uYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, uye utsho esuke phakathi kwabazalwana bakhe, umse engontsini engaphakathi;
9:3b.2KI.009.003 uthabathe igutyana leoli, umgalele entloko, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli; uluvule ke ucango, usabe, ungahlali.
9:4b.2KI.009.004 Waya umfana lowo, umkhonzi lowo womprofeti, eRamoti yaseGiliyadi.
9:5b.2KI.009.005 Wafika ke, naba abathetheli bempi behleli phantsi. Wathi, Ndinelizwi kuwe, mthetheli-mkhosi. Wathi uYehu, Kuwuphi na, phakathi kwethu aba sonke? Wathi, Kuwe, mthetheli-mkhosi.
9:6b.2KI.009.006 Wesuka, wangena endlwini, wamgalela ioli entloko, wathi kuye, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kubantu bakaYehova, kumaSirayeli.
9:7b.2KI.009.007 Woyixabela indlu ka-Ahabhi inkosi yakho, ndiwaphindezele amagazi abakhonzi bam abaprofeti, namagazi abakhonzi bonke bakaYehova, esandleni sikaIzebhele;
9:8b.2KI.009.008 idake yonke indlu ka-Ahabhi, ndinqumle kuAhabhi yonke into eyindoda, novalelweyo novulelweyo kwaSirayeli.
9:9b.2KI.009.009 Ndoyenza indlu ka-Ahabhi ibe njengendlu kaYarobheham unyana kaNebhati, nanjengendlu kaBhahesha unyana ka-Ahiya;
9:10b.2KI.009.010 zimdle izinja uIzebhele esiqwengeni esiseYizereli, kungabikho umngcwabayo. Waluvula ucango, wasaba.
9:11b.2KI.009.011 Ephumile uYehu, waya kubakhonzi benkosi yakhe. Kwathiwa kuye, Luxolo na? Ebezeleni na lo mbhudi? Wathi kubo, Le ndoda yaziwa nini, kwanokuthethathetha kwayo.
9:12b.2KI.009.012 Bathi, Xoka; khawusixelele. Wathi, Uthe, wathi ukuthetha kum, Utsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli.
9:13b.2KI.009.013 Bakhawuleza, wathabatha elowo ingubo yakhe, wayibeka phantsi kwakhe uYehu ezinyukweni kanye, bavuthela izigodlo, bathi, UYehu ngukumkani!
9:14b.2KI.009.014 UYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, wamceba ke uYoram. Ke kaloku uYoram ubeyilinda iRamoti yaseGiliyadi, yena namaSirayeli onke, ngenxa kaHazayeli ukumkani wakwa-Aram;
9:15b.2KI.009.015 ke ukumkani, uYoram, ubebuyele eYizereli, ukuba anyangwe amanxeba awawafumana kuma-Aram, esilwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wathi uYehu, Ukuba kukuthanda kwenu, makungaphumi kusinde mntu kulo mzi, aye kuxela eYizereli.
9:16b.2KI.009.016 Wakhwela uYehu enqwelweni, waya eYizereli; ngokuba uYoram ebelele khona. Ke uAhaziya ukumkani wamaYuda wehla, waya kumbona uYoram.
9:17b.2KI.009.017 Ke kaloku umlindi, obemi phezu kwenqaba eYizereli, wabona impi kaYehu ekuzeni kwakhe, wathi, Ndibona impi. Wathi uYoram, Thabatha okhwele ihashe, umthume aye kubakhawulela, athi, Luxolo na?
9:18b.2KI.009.018 Waya kumkhawulela loo mkhweli-hashe, wathi, Utsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam. Waxela umlindi, wathi, Umthunywa uye wafika kubo, ke akabuyi.
9:19b.2KI.009.019 Wathuma owesibini umkhweli-hashe, waya kubo, wathi, Utsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam.
9:20b.2KI.009.020 Waxela umlindi, wathi, Uye wafika kubo, ke akabuyi; ke ukuqhuba kunjengokuqhuba kukaYehu, unyana kaNimshi; ngokuba uqhuba ngobudlongodlongo.
9:21b.2KI.009.021 Wathi uYoram, Bopha. Yabotshwa inqwelo yakhe yokulwa. Waphuma uYoram ukumkani wamaSirayeli, noAhaziya ukumkani wamaYuda, elowo esenqwelweni yakhe yokulwa. Baphuma baya kumkhawulela uYehu, bamfumana esiqwengeni somhlaba sikaNabhoti waseYizereli.
9:22b.2KI.009.022 Kwathi uYoram, akumbona uYehu, wathi, Luxolo na, Yehu? Wathi yena, Luxolo lwani na, xa ukuhenyuza kukaIzebhele unyoko, nokukhafula kwakhe okuninzi, kusahleliyo nje?
9:23b.2KI.009.023 UYoram wawajika amahashe ngezandla zakhe, wasaba. Wathi kuAhaziya, Licebo, Ahaziya.
9:24b.2KI.009.024 UYehu waqubula isaphetha sakhe, watsho kuYoram phakathi kwamagxa, utolo lwaphumela ephaphini lakhe, wee buthuthu enqwelweni yakhe.
9:25b.2KI.009.025 Wathi uYehu kuBhidekare, umphathi-mkhosi wakhe, Mthwale, umphose esiqwengeni somhlaba kaNabhoti wakwaYizereli; ngokuba, khumbula, oko sasikhwele thina sobabini, mna nawe, emva koAhabhi uyise, uYehova wahlaba eso sihlabo ngaye.
9:26b.2KI.009.026 Inene amagazi kaNabhoti, namagazi oonyana bakhe, ndiwabonile izolo, utsho uYehova; ndiya kukuphindezelela kwesi siqwenga somhlaba, utsho uYehova. Ke ngoko mthwale, umphose esiqwengeni eso ngokwelizwi likaYehova.
9:27b.2KI.009.027 UAhaziya ukumkani wakwaYuda, ekubonile oko, wasaba ngendlela yendlu yasemyezweni. UYehu wamsukela, wathi, Naye mgwazeleni enqwelweni yokulwa (kube kuseqhineni leGure elingaseIhlam). Wasaba ke waya eMegido, wafela khona.
9:28b.2KI.009.028 Abakhonzi bakhe bamsa ngenqwelo eYerusalem, bamngcwabela engcwabeni lakhe kooyise, emzini kaDavide.
9:29b.2KI.009.029 Ngomnyaka weshumi elinamnye kaYoram unyana ka-Ahabhi, uAhaziya waba ngukumkani wakwaYuda.
9:30b.2KI.009.030 Uthe uYehu akufika eYizereli, weva uIzebhele, waziqaba amehlo, wazihombisa intloko, wavela ngefestile.
9:31b.2KI.009.031 Wangena uYehu esangweni, wathi yena, Luxolo na, Zimri, wena mbulali wenkosi yakho?
9:32b.2KI.009.032 Wawaphakamisa uYehu amehlo akhe, wabheka efestileni, wathi, Ngubani na ongakum? Ngubani na? Kwalunguza ababusi ababini, abathathu.
9:33b.2KI.009.033 Wathi, Mkhahleleni phantsi. Amkhahlela phantsi; igazi lakhe lachaphazela udonga namahashe, wamnyathelisa ngawo.
9:34b.2KI.009.034 Wangena, wadla, wasela; wathi, Khanimvelele laa mqalekiswakazi, nimngcwabe; ngokuba yintombi yokumkani.
9:35b.2KI.009.035 Baya kumngcwaba: abawufumana umzimba wakhe, yaba lukakayi, neenyawo, neentende zezandla kuphela.
9:36b.2KI.009.036 Babuya ke, bamxelela. Wathi, Lilizwi likaYehova elo, abelithethe ngomkhonzi wakhe uEliya waseTishbhi, lisithi, Izinja ziya kuyidla inyama kaIzebhele esiqwengeni somhlaba saseYizereli,
9:37b.2KI.009.037 sithi isidumbu sikaIzebhele sibe njengomgquba phezu komhlaba esiqwengeni saseYizereli, kukuze kungathiwa, Lo nguIzebhele.
10
10:1b.2KI.010.001 Waye uAhabhi enoonyana abamashumi asixhenxe kwaSamari. Wabhala incwadi uYehu, wathumela kwaSamari kubathetheli baseYizereli, kumadoda amakhulu, nakubondli bentsapho ka-Ahabhi, wathi,
10:2b.2KI.010.002 Ngoku ke, xa ifikileyo kuni le ncwadi, bekuni nje oonyana benkosi yenu, zikuni nje iinqwelo zokulwa, namahashe, nomzi onqatyisiweyo, nezikrweqe;
10:3b.2KI.010.003 khangelani oyena ufanelekileyo, othe tye, koonyana benkosi yenu, nimbeke etroneni yoyise, niyilwele indlu yenkosi yenu.
10:4b.2KI.010.004 Boyika kakhulu kunene, bathi, Yabonani, ookumkani bebabini abemanga phambi kwakhe; sothini na ukumisa thina?
10:5b.2KI.010.005 Bathuma ophethe indlu, nophethe umzi, namadoda amakhulu, nabondli, kuYehu, bathi, Singabakhonzi bakho; konke oya kukuthetha kuthi, sokwenza; asiyi kumisa mntu abe ngukumkani; yenza ngokubona kwakho.
10:6b.2KI.010.006 Wababhalela eyesibini incwadi, esithi, Ukuba ningakum, niphulaphula izwi lam, thabathani iintloko zamadoda angoonyana benkosi yenu, nizizise kum eYizereli eli xa ngomso. Ke, oonyana bokumkani, bengamashumi asixhenxe amadoda, babekwizikhulu zomzi, ezibe zibakhulisa.
10:7b.2KI.010.007 Kwathi, yakufika kubo le ncwadi, babathabatha oonyana bokumkani, babasika bengamadoda angamashumi asixhenxe, bazibeka iintloko zabo ezingobozini, bazithumela kuye eYizereli.
10:8b.2KI.010.008 Wafika umthunywa, wamxelela, wathi, Bazizisile iintloko zoonyana bokumkani. Wathi, Zibekeni zibe ziimfumba ezimbini ngaphandle kwesango kude kuse.
10:9b.2KI.010.009 Kwathi kusasa waphuma, wema, wathi kubantu bonke, Ningamalungisa; yabonani, mna ndaceba inkosi yam, ndayibulala; ngubani na ke lo uxabele bonke aba?
10:10b.2KI.010.010 Yazini ke ngoku, ukuba akuyi kuwa phantsi nento yelizwi likaYehova, awalithethayo uYehova ngendlu ka-Ahabhi. UYehova ukwenzile ke oko wakuthethayo ngomkhonzi wakhe uEliya.
10:11b.2KI.010.011 UYehu wababulala bonke abaseleyo bendlu ka-Ahabhi eYizereli, nezikhulu zakhe zonke, nabazana naye, nababingeleli bakhe, kwada akwasala kuye namnye usindileyo.
10:12b.2KI.010.012 Wesuka wemka, waya kwaSamari; kwathi, uYehu lowo esendlwini yokucheba yabalusi, endleleni,
10:13b.2KI.010.013 wafumanana nabazalwana baka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, wathi, Ningoobani na nina? Bathi, Singabazalwana baka-Ahaziya; siyehla, siya kubulisa oonyana bokumkani noonyana benkosikazi.
10:14b.2KI.010.014 Wathi, Babambeni behleli. Bababamba behleli, babasika ngasemhadini wendlu yokucheba; babengamadoda angamashumi omane anamabini; akasalisa mntu kubo.
10:15b.2KI.010.015 Uthe akunduluka khona, wafumanana noYehonadabhi unyana kaRekabhi, emkhawulela; wambulisa, wathi kuye, Ithe tye na intliziyo yakho, njengokuba injalo intliziyo yam kwintliziyo yakho? Wathi uYehonadabhi, Injalo. Wathi, Ukuba injalo ke, ethe isandla sakho. Wamnika isandla sakhe. Wamnyusa wamkhwelisa enqwelweni.
10:16b.2KI.010.016 Wathi, Hamba nam, ubone ikhwele lam ngenxa kaYehova. Bamkhwelisa ke naye enqwelweni yakhe.
10:17b.2KI.010.017 Weza kwaSamari, wababulala bonke abaseleyo kuAhabhi kwaSamari, wada wamtshabalalisa ngokwelizwi likaYehova, abelithethile kuEliya.
10:18b.2KI.010.018 UYehu wabahlanganisa bonke abantu, wathi kubo, UAhabhi wamkhonza kancinane uBhahali, uYehu yena uya kumkhonza kakhulu.
10:19b.2KI.010.019 Ke ngoko babizeleni kum abaprofeti bakaBhahali bonke, abakhonzi bakhe bonke, nababingeleli bakhe bonke. Makungabikho mntu ungekhoyo; ngokuba ndinombingelelo omkhulu kuBhahali. Bonke abathe ababakho, abayi kudla bomi. UYehu waye esenza le nto ebalalanisa, ukuze abatshabalalise abakhonzi bakaBhahali.
10:20b.2KI.010.020 Wathi uYehu, Mmemeleni ingqungquthela engcwele uBhahali. Bayimema ke.
10:21b.2KI.010.021 UYehu wathumela kumaSirayeli onke; beza bonke abakhonzi bakaBhahali, kwada akwasala namnye ungezanga. Bangena endlwini kaBhahali, bayizalisa indlu kaBhahali, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye.
10:22b.2KI.010.022 Wathi kumphathi wendlu yeengubo, Barholeleni bonke abakhonzi bakaBhahali iingubo; wabarholela ke iingubo.
10:23b.2KI.010.023 Wangena uYehu noYehonadabhi, unyana kaRekabhi, endlwini kaBhahali, wathi kubakhonzi bakaBhahali, Funisisani nikhangele, hleze kubekho kuni apha omnye wakubakhonzi bakaYehova; mayibe ngabakhonzi bakaBhahali bodwa.
10:24b.2KI.010.024 Bangena ke, baya kwenza imibingelelo namadini anyukayo. UYehu wayezimisele ngaphandle amashumi osibhozo amadoda, wathi, Indoda ethe yasindisa umntu kula madoda, ndiwazisileyo ezandleni zenu, umphefumlo wayo woba sesikhundleni somphefumlo walowo usindileyo.
10:25b.2KI.010.025 Kwathi, xa abegqibile ukulenza idini elinyukayo, wathi uYehu kwizigidimi nakubaphathi-mikhosi, Ngenani nibabulale; makungaphumi mntu. Babaxabela ke ngohlangothi lwekrele; zabaphosa phandle izigidimi nabaphathi-mikhosi. Zaya enqabeni yendlu kaBhahali,
10:26b.2KI.010.026 zazikhupha iintsika zendlu kaBhahali, zazitshisa;
10:27b.2KI.010.027 zazidiliza izimiso zamatye zikaBhahali, zayidiliza indlu kaBhahali, zayenza indawo ekuyiwa kuyo endle unanamhla.
10:28b.2KI.010.028 UYehu wamtshabalalisa ke uBhahali kwaSirayeli;
10:29b.2KI.010.029 kodwa izono zikaYarobheham, unyana kaNebhati, awawonisa amaSirayeli ngazo, uYehu akatyekanga ekuzilandeleni, ezingamathole egolide abeseBheteli nabekwaDan.
10:30b.2KI.010.030 Wathi uYehova kuYehu, Ngenxa enokuba ulungisile ukwenza okuthe tye emehlweni am, wenza kwindlu ka-Ahabhi njengako konke okusentliziyweni yam: oonyana bakho besizukulwana sesine baya kukuhlalela etroneni yakwaSirayeli.
10:31b.2KI.010.031 Ke uYehu akakugcinanga ukuhamba ngomyalelo kaYehova uThixo kaSirayeli ngentliziyo yakhe yonke; akatyekanga ezonweni zikaYarobheham, awawonisa ngazo amaSirayeli.
10:32b.2KI.010.032 Ngaloo mihla waqala uYehova ukunciphisa kumaSirayeli. Wawaxabela uHazayeli emideni yonke yakwaSirayeli,
10:33b.2KI.010.033 wathabathela eYordan empumalanga, lonke ilizwe laseGiliyadi, elamaGadi, nelamaRubhen, nelamaManase; wathabathela eArohere, engasemlanjaneni oyiArnon, elaseGiliyadi nelaseBhashan.
10:34b.2KI.010.034 Ezinye izinto zikaYehu, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe bonke, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
10:35b.2KI.010.035 UYehu walala kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari. UYehowahazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
10:36b.2KI.010.036 Imihla uYehu awaba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, yaba yiminyaka emashumi mabini anesibhozo.
11
11:1b.2KI.011.001 Ke kaloku uAtaliya, unina ka-Ahaziya, uthe, akubona ukuba unyana wakhe ufile, wesuka wayitshabalalisa yonke imbewu yokumkani.
11:2b.2KI.011.002 Ke uYoshebha, intombi yokumkani uYehoram, udade boAhaziya, wamthabatha uYowashe unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawayo, wamsa yena nomondli wakhe egumbini lokulala, bamfihla kuAtaliya, ukuba angabulawa.
11:3b.2KI.011.003 Wayenaye endlwini kaYehova, ezinyeziwe, iminyaka emithandathu. Waye uAtaliya engukumkanikazi kulo ilizwe.
11:4b.2KI.011.004 Ngomnyaka wesixhenxe uYehoyada wathumela, wathabatha abathetheli-makhulu basebancinithini nabasezigidimini, wabazisa kuye endlwini kaYehova. Wabamisela umnqophiso, wabafungisa endlwini kaYehova, wababonisa unyana wokumkani.
11:5b.2KI.011.005 Wabawisela umthetho, wathi, Yiyo le into eniya kuyenza: Isahlulo sesithathu kuni, bangenayo ngesabatha, sogcina isigxina sendlu yokumkani;
11:6b.2KI.011.006 esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni laseSure; esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni emva kwezigidimi; nisigcine isigxina sendlu, nithintele.
11:7b.2KI.011.007 Ke izahlulo ezibini phakathi kwenu nonke, niphumayo ngesabatha, zosigcina isigxina sendlu kaYehova kukumkani;
11:8b.2KI.011.008 nimphahle ukumkani ngeenxa zonke, elowo eneentonga zakhe esandleni sakhe; athi ongene ezintlwini abulawe, nibe nokumkani ekuphumeni kwakhe nasekubuyeni kwakhe.
11:9b.2KI.011.009 Benza ke abathetheli-makhulu ngako konke uYehoyada umbingeleli abewise umthetho ngako. Bathabatha elowo amadoda akhe, angenayo ngesabatha, kunye naphumayo ngesabatha, beza kuYehoyada umbingeleli.
11:10b.2KI.011.010 Umbingeleli wabanika abathetheli-makhulu iintshuntshe namakhaka abe engawokumkani uDavide, abesendlwini kaYehova.
11:11b.2KI.011.011 Zema izigidimi, saeso saba neentonga zaso esandleni saso, zathabathela kwiphiko lasekunene lendlu, zesa kwiphiko lasekhohlo lendlu, ngasesibingelelweni, ngasendlwini, ngeenxa zonke kukumkani.
11:12b.2KI.011.012 Wamkhuphela phandle unyana wokumkani, wamfaka isithsaba wamnika nesingqiniso. Bamenza ukumkani, bamthambisa, babetha izandla, bathi, Makadle ubomi ukumkani!
11:13b.2KI.011.013 Uthe uAtaliya, akusiva isandi sezigidimi nesabantu, waya kubo abantu endlwini kaYehova.
11:14b.2KI.011.014 Wakhangela, nanko ukumkani emi endaweni ephakamileyo ngokwesiko, nabathetheli nabavutheli ngamaxilongo bengakukumkani; abantu bonke belizwe bevuya, bevuthela amaxilongo. Wazikrazula iingubo zakhe uAtaliya, wakhala wathi, Licebo! Licebo!
11:15b.2KI.011.015 UYehoyada umbingeleli wabawisela umthetho abathetheli-makhulu, abaveleli bempi leyo, wathi kubo, Mkhupheleni phandle phakathi kwezintlu; omlandelayo makabulawe ngekrele. Ngokuba ubesithi umbingeleli, makangabulawelwa endlwini kaYehova. Bamkhwelela ngeenxa zombini.
11:16b.2KI.011.016 Waya endlwini yokumkani ngendlela yokungena kwamahashe, wabulawelwa khona.
11:17b.2KI.011.017 Wawenza uYehoyada umnqophiso phakathi koYehova nokumkani nabantu, ukuba babe ngabantu bakaYehova; naphakathi kokumkani nabantu.
11:18b.2KI.011.018 Baya bonke abantu belizwe endlwini kaBhahali, bayidiliza; izibingelelo zakhe nemifanekiso yakhe bayiqhekeza kwaphela. Bambulala uMatan, umbi ngeleli kaBhahali, phambi kwesibingelelo. Umbingeleli wamisa abaveleli endlwini kaYehova.
11:19b.2KI.011.019 Wabathabatha abathetheli-makhulu, nabancinithi, nezigidimi, nabantu bonke belizwe, behla nokumkani endlwini kaYehova, baya endlwini yokumkani ngendlela yesango lezigidimi. Wahlala ke etroneni yokumkani.
11:20b.2KI.011.020 Bavuya bonke abantu belizwe; wazola umzi; kuba babembulele uAtaliya ngekrele endlwini yokumkani.
11:21b.2KI.011.021 UYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe.
12
12:1b.2KI.012.001 Waba ngukumkani uYowashe ngomnyaka wesixhenxe kaYehu; waba neminyaka emashumi mane engukumkani eYerusalem. Ke igama lonina belinguTsibheya waseBher-shebha.
12:2b.2KI.012.002 UYowashe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova yonke imihla yakhe, abemyala ngayo uYehoyada umbingeleli.
12:3b.2KI.012.003 Kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.
12:4b.2KI.012.004 Wathi uYowashe kubabingeleli, Yonke imali yezinto ezingcwalisiweyo, eziswayo endlwini kaYehova, imali yogqithela kwababaliweyo, nemali yomphefumlo walowo nalowo ngokulinganiselwa kwakhe, nemali yonke ekuthe qatha entliziyweni yomntu, ukuba ayizise endlwini kaYehova,
12:5b.2KI.012.005 mabayithabathele kubo ababingeleli, elowo ayithabathe kwabazana naye, batywine iintanda zendlu, apho sukuba kufunyenwe uthanda khona.
12:6b.2KI.012.006 Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesithathu wokumkani uYowashe, ababingeleli bengekazitywini iintanda zendlu,
12:7b.2KI.012.007 ukumkani uYowashe wambiza uYehoyada umbingeleli nabanye ababingeleli, wathi kubo, Yini na ukuba ningazitywini iintanda zendlu? Ke ngoko maningabi sathabatha mali kwabazana nani; yinikeleleni ukutywina iintanda zendlu.
12:8b.2KI.012.008 Bakuvuma ababingeleli ukungabi sathabatha mali ebantwini, nokuthi zingatywinwa ngabo iintanda zendlu.
12:9b.2KI.012.009 UYehoyada umbingeleli wathabatha umkhombe, waphehla intunja esicikweni sawo, wawubeka ecaleni lesibingelelo, ngasekunene ekungeneni endlwini kaYehova, ukuze ababingeleli abagcina umbundu womnyango bayibeke khona yonke imali eziswayo endlwini kaYehova.
12:10b.2KI.012.010 Kube kusithi, bakubona ukuba ininzi imali emkhombeni, enyuke umbhali wokumkani nombingeleli omkhulu, bayibophe ngengxowa, bayibale imali efunyenweyo endlwini kaYehova.
12:11b.2KI.012.011 Bayinikela imali ilinganisiwe ezandleni zabawenzayo umsebenzi, zabayikhangelayo indlu kaYehova; bayikhuphela ke abo kwiingcibi zemithi nakubakhi abayisebenzayo indlu kaYehova,
12:12b.2KI.012.012 nakubakhi beendonga, nakubaxholi bamatye, ukuba bathenge imithi namatye axholiweyo, ukuba kutywinwe iintanda zendlu kaYehova, beyikhuphela into yonke ekhutshelwe ukuhlaziya indlu kaYehova.
12:13b.2KI.012.013 Ke indlu kaYehova ayenzelwanga zitya zasilivere, nazitshetshe, nazitya zokutshiza, namaxilongo, nanye impahla yegolide, nanye impahla yesilivere, ngemali leyo ibiziswe endlwini kaYehova;
12:14b.2KI.012.014 basuka bayinika abenzi bomsebenzi, ukuba bahlaziye ngayo indlu kaYehova.
12:15b.2KI.012.015 Babengabalelani namadoda, ababeyinikela ezandleni zawo imali leyo, ukuba ahlawule abenzi bomsebenzi; ngokuba abesebenza enyanisekile.
12:16b.2KI.012.016 Ke imali yedini letyala, nemali yelesono, ibingaziswa endlwini kaYehova; yaba yeyababingeleli.
12:17b.2KI.012.017 Ngelo xesha uHazayeli ukumkani wakwa-Aram wenyuka waya kulwa neGati, wayithimba. UHazayeli wabubhekisa ubuso bakhe ukuba enyuke aye eYerusalem.
12:18b.2KI.012.018 Wazithabatha uYowashe ukumkani wakwaYuda zonke izinto ezingcwele, ababezingcwalisile ooYehoshafati noYehoram noAhaziya, ooyise, ookumkani bakwaYuda, nezakhe izinto ezingcwele, negolide yonke eyafumanekayo ebuncwaneni bendlu kaYehova nobendlu yokumkani, wazithumela kuHazayeli ukumkani wakwa-Aram; wenyuka ke, wemka eYerusalem.
12:19b.2KI.012.019 Ezinye izinto zikaYowashe, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
12:20b.2KI.012.020 Basuka abakhonzi bakhe baceba icebo, bambulala uYowashe endlwini yaseMilo, ekuyiweni eSila.
12:21b.2KI.012.021 UYozakare unyana kaShimehati, noYozabhadi unyana kaShomere, abakhonzi bakhe, bamxabela ke, wafa. Bamngcwabela kooyise emzini kaDavide. UAmatsiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
13
13:1b.2KI.013.001 Ngomnyaka wamashumi omabini anamithathu kaYowashe unyana ka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYehowahazi, unyana kaYehu, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi elinesixhenxe.
13:2b.2KI.013.002 Wenza okubi emehlweni kaYehova, walandela izono zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; akatyeka kuzo.
13:3b.2KI.013.003 Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sikaHazayeli ukumkani wakwa-Aram, nasesandleni sikaBhen-hadadi, unyana kaHazayeli, yonke imihla.
13:4b.2KI.013.004 UYehowahazi wambongoza uYehova; uYehova wamva ke; ngokuba wakubona ukuxinwa kwamaSirayeli; ngokuba ukumkani wama-Aram wayewaxinile.
13:5b.2KI.013.005 (UYehova wawanika amaSirayeli umsindisi, aphuma phantsi kwesandla sama-Aram; bahlala oonyana bakaSirayeli ezintenteni zabo, njengokwangaphambili;
13:6b.2KI.013.006 nakuba babengatyekanga ezonweni zendlu kaYarobheham awawonisa ngazo amaSirayeli, asuka ahamba kuzo; noAshera wayesemi kwaSamari.)
13:7b.2KI.013.007 Ngokuba akamshiyelanga bantu uYehowahazi, yaba ngamashumi amahlanu abamahashe, neshumi leenqwelo zokulwa, neshumi lamawaka omqikela; ngokuba wabatshabalalisa ukumkani wakwa-Aram, wabenza baba njengothuli lokunyathelwa.
13:8b.2KI.013.008 Ezinye izinto zikaYehowahazi, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
13:9b.2KI.013.009 Walala uYehowahazi kooyise, bamngcwabela kwaSamari. UYehohashe, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
13:10b.2KI.013.010 Ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe kaYowashe ukumkani wakwaYuda, uYehohashe unyana kaYehowahazi waba ngukumkani wamaSirayeli kwaSamari, iminyaka elishumi elinamithandathu.
13:11b.2KI.013.011 Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka kwizono zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; wasuka wahamba kuzo.
13:12b.2KI.013.012 Ezinye izinto zikaYehohashe, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe awalwa ngabo noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
13:13b.2KI.013.013 Walala uYehohashe kooyise; uYarobheham wahlala etroneni yakhe. UYehohashe wangcwatyelwa kwaSamari, kookumkani bakwaSirayeli.
13:14b.2KI.013.014 Ke kaloku uElisha wayesifa sisifo awayeza kufa siso. Wehla uYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, waya kuye, walila phambi kwakhe, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli nabamahashe bakhe!
13:15b.2KI.013.015 UElisha wathi kuye, Thabatha isaphetha neentolo. Wasithabatha ke isaphetha neentolo.
13:16b.2KI.013.016 Wathi kukumkani wakwaSirayeli, Sityede isaphetha ngesandla sakho. Wasityeda ngesandla sakhe; uElisha wabeka ezakhe izandla ezandleni zokumkani,
13:17b.2KI.013.017 wathi, Vula ifestile ngasempumalanga; wayivula. Wathi uElisha, Tola; watola. Wathi, Huntshu, utolo losindiso lukaYehova! Utolo losindiso oluchase ama-Aram! Uya kutsho ngalo kuma-Aram eAfeki ade aphele.
13:18b.2KI.013.018 Wathi, Zithabathe iintolo; wazithabatha. Wathi kukumkani wakwaSirayeli, Tola emhlabeni; watsho izihlandlo zazithathu, wayeka.
13:19b.2KI.013.019 Wesuka umfo wakwaThixo, wanoburhalarhume ngakuye, wathi, Unge utsho izihlandlo zazihlanu, nokuba zithandathu; ukuze ube uya kutsho kuma-Aram ade aphele; useluya kutsho kuma-Aram izihlandlo zibe zithathu kuphela.
13:20b.2KI.013.020 Wafa uElisha, bamngcwaba. Ke amatutu amaMowabhi ebedla ngokulingenela ilizwe, ukuthwasa komnyaka;
13:21b.2KI.013.021 kwathi, bengcwaba indoda, babona ngamatutu evela; bayiphosa indoda leyo engcwabeni likaElisha. Ithe indoda leyo yakufika emathanjeni kaElisha, yasuka yaphila, yema ngeenyawo.
13:22b.2KI.013.022 Ke kaloku uHazayeli, ukumkani wama-Aram, wayewaxinile amaSirayeli yonke imihla kaYehowahazi.
13:23b.2KI.013.023 UYehova wawababala, wasikwa yimfesane ngawo, wawabheka ngenxa yomnqophiso wakhe noAbraham noIsake noYakobi; akavuma ukuwonakalisa nokuwalahla ebusweni bakhe unangoku.
13:24b.2KI.013.024 Wafa uHazayeli ukumkani wama-Aram; uBhen-hadade, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
13:25b.2KI.013.025 Wabuya uYehohashe unyana kaYehowahazi, wayithimba imizi kuBhen-hadade unyana kaHazayeli, awayeyithimbe yena kuYehowahazi uyise ngemfazwe. UYehohashe wamgxotha izihlandlo zazithathu wayibuyisa imizi yakwaSirayeli.
14
14:1b.2KI.014.001 Ngomnyaka wesibini kaYehohashe unyana kaYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uAmatsiya, unyana kaYowashe ukumkani wakwaYuda.
14:2b.2KI.014.002 Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYehowadan waseYerusalem.
14:3b.2KI.014.003 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa akaba njengoDavide uyise; wenza njengako konke awakwenzayo uYowashe uyise.
14:4b.2KI.014.004 Kodwa zona iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezingangeni.
14:5b.2KI.014.005 Wathi, bakuqiniseka ubukumkani esandleni sakhe, wababulala abakhonzi bakhe ababembulele ukumkani uyise.
14:6b.2KI.014.006 Ke oonyana bababulali abo akababulalanga, njengoko kubhaliweyo encwadini yomyalelo kaMoses, apho uYehova wayewise umthetho wokuthi, Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana, oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesakhe isono.
14:7b.2KI.014.007 Wawabulala amaEdom eSihlanjeni seTyuwa, ishumi lamawaka. Wayithimba ingxondorha ngokulwa; wathi igama layo yiYoketele unanamhla.
14:8b.2KI.014.008 Waza uAmatsiya wathumela abathunywa kuYehohashe, unyana kaYehowahazi, unyana kaYehu, ukumkani wakwaSirayeli, esithi, Yiza siqwalaselane ngamehlo.
14:9b.2KI.014.009 UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, Ikhakakhaka eliseLebhanon lathumela kumsedare oseLebhanon, lisithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakhe. Ke irhamncwa laseLebhanon laliwela, lalibhuqa, ikhakakhaka elo.
14:10b.2KI.014.010 Uwabulele okunene amaEdom, yakuphakamisa intliziyo yakho; zuka ngaloo nto uhlale endlwini yakho. Yini na ukuba ufekethe ngobubi, uwe, wena namaYuda anawe?
14:11b.2KI.014.011 Akaphulaphula uAmatsiya. Wenyuka ke uYehohashe ukumkani wakwaSirayeli; baqwalaselana ngamehlo, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe eyeyakwaYuda.
14:12b.2KI.014.012 Aqondiswa ke amaYuda ngamaSirayeli; yangulowo wasabela ententeni yakhe.
14:13b.2KI.014.013 UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe, weza eYerusalem, waluqhekeza udonga lweYerusalem, wathabathela esangweni lakwaEfrayim, wesa esangweni lembombo, ikubhite ezimakhulu mane.
14:14b.2KI.014.014 Wayithabatha yonke igolide nesilivere, neempahla zonke ezafumanekayo endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, nabazizibambiso; wabuyela kwaSamari.
14:15b.2KI.014.015 Ezinye izinto zikaYehohashe awazenzayo, nobukroti bakhe, nokulwa kwakhe noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
14:16b.2KI.014.016 Walala uYehohashe kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari, ndawonye nookumkani bakwaSirayeli. UYarobheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
14:17b.2KI.014.017 Wadla ubomi uAmatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, iminyaka elishumi linesihlanu emva kokufa kukaYehohashe, unyana kaYehowahazi ukumkani wakwaSirayeli.
14:18b.2KI.014.018 Ezinye izinto zika-Amatsiya azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
14:19b.2KI.014.019 Bamceba eYerusalem, wasabela eLakishe, Bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulalela khona.
14:20b.2KI.014.020 Bamthwala ngamahashe, bamngcwabela eYerusalem kooyise emzini kaDavide.
14:21b.2KI.014.021 Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha uAzariya, akubon ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.
14:22b.2KI.014.022 Yakhiwa nguye iElati, wayibuyisela kumaYuda, emveni kokuba ukumkani walalayo kooyise.
14:23b.2KI.014.023 Ngomnyaka weshumi elinesihlanu ka-Amatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYarobheham, unyana kaYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, kwaSamari, iminyaka yamashumi mane anamnye.
14:24b.2KI.014.024 Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.
14:25b.2KI.014.025 Yena wawubuyisa umda wakwaSirayeli: wathabathela ekungeneni kweHamati, wesa kulwandle lweArabha, ngokwelizwi likaYehova uThixo wakwaSirayeli, awalithethayo ngomkhonzi wakhe uYona unyana ka-Amitayi, umprofeti waseGati-hefere.
14:26b.2KI.014.026 Ngokuba uYehova wakubona ukubandezelwa kwamaSirayeli ukuba kukrakra kakhulu, uphelile ovalelweyo, uphelile ovulelweyo, kungekho namncedi kwaSirayeli.
14:27b.2KI.014.027 UYehova akatshongo ukuthi, uya kulicima igama lamaSirayeli phantsi kwezulu; wawasindisa ke ngesandla sikaYarobheham unyana kaYehohashe.
14:28b.2KI.014.028 Ezinye izinto zikaYarobheham nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe awalwa ngabo, awayibuyisela ngabo iDamasko neHamati yakwaYuda kumaSirayeli, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
14:29b.2KI.014.029 Walala uYarobheham kooyise, kookumkani bakwaSirayeli; uZekariya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
15
15:1b.2KI.015.001 Ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uAzariya, unyana ka-Amatsiya ukumkani wakwaYuda.
15:2b.2KI.015.002 Ubeminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka emashumi mahlanu anamibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYekoliya waseYerusalem.
15:3b.2KI.015.003 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uAmatsiya uyise;
15:4b.2KI.015.004 kodwa azisuswanga iziganga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.
15:5b.2KI.015.005 UYehova wambetha ukumkani, waba neqhenqa kwada kwayimini yokufa kwakhe; wahlala endlwini eyodwa. Ke uYotam, unyana wokumkani, ebephethe ibhotwe, ebalawula abantu belizwe.
15:6b.2KI.015.006 Ezinye izinto zika-Azariya, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
15:7b.2KI.015.007 Walala uAzariya kooyise; bamngcwabela kooyise emzini kaDavide. UYotam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
15:8b.2KI.015.008 Ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uZekariya, unyana kaYarobheham, kumaSirayeli kwaSamari, iinyanga ezintandathu.
15:9b.2KI.015.009 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko benza ngako ooyise; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.
15:10b.2KI.015.010 UShalum unyana kaYabheshe wamceba, wamxabela phambi kwabantu, wambulala; waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
15:11b.2KI.015.011 Ezinye izinto zikaZekariya, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.
15:12b.2KI.015.012 Lilizwi elo awalithethayo uYehova kuYehu lokuthi, Kuwe kuya kuhlala oonyana besesine isizukulwana etroneni yakwaSirayeli. Kwaba njalo ke.
15:13b.2KI.015.013 UShalum unyana kaYabheshe waba ngukumkani ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba kaUziya ukumkani wakwaYuda. Waba ngukumkani inyanga iphela kwaSamari.
15:14b.2KI.015.014 Wenyuka uMenahem unyana kaGadi, esuka eTirtsa, waya kwaSamari, wamxabela uShalum unyana kaYabheshe kwaSamari, wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
15:15b.2KI.015.015 Ezinye izinto zikaShalum, necebo lakhe awalicebayo, nanzo zibhalwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.
15:16b.2KI.015.016 Waza uMenahem wachitha iTifesa nento yonke ebikuyo, nemida yayo, ephuma eTirtsa; ngokuba ingamvulelanga, wayixabela; wabaqangqulula bonke abamithiyo kuyo.
15:17b.2KI.015.017 Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uMenahem unyana kaGadi kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi.
15:18b.2KI.015.018 Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli, yonke imihla yakhe.
15:19b.2KI.015.019 Walifikela ilizwe uPuli, ukumkani waseAsiriya; uMenahem wamnika uPuli iwaka leetalente zesilivere, ukuze izandla zakhe zibe ngakuye, ukuze abuqinise ubukumkani esandleni sakhe.
15:20b.2KI.015.020 UMenahem wayibiza isilivere leyo kumaSirayeli, kumadoda onke azizityebi, ukuba anike ukumkani waseAsiriya: yangamashumi omahlanu eeshekele zesilivere kumntu emnye. Wabuya ke ukumkani waseAsiriya; akahlala ezweni elo.
15:21b.2KI.015.021 Ezinye izinto zikaMenahem, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
15:22b.2KI.015.022 Walala uMenahem kooyise; uPekaya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
15:23b.2KI.015.023 Ngomnyaka wamashumi omahlanu ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uPekaya, unyana kaMenahem, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yamibini.
15:24b.2KI.015.024 Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.
15:25b.2KI.015.025 UPeka, unyana kaRemaliya, umphathi-mkhosi wakhe, wamceba wamxabela kwaSamari enqabeni yendlu yokumkani, noArgobhi noAriye, enamadoda angamashumi omahlanu koonyana bamaGiliyadi; wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
15:26b.2KI.015.026 Ezinye izinto zikaPekaya, nako konke awakwenzayo, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.
15:27b.2KI.015.027 Ngomnyaka wamashumi omahlanu anamabini ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, uPeka, unyana kaRemaliya, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yamashumi mabini.
15:28b.2KI.015.028 Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.
15:29b.2KI.015.029 Ngemihla kaPeka ukumkani wakwaSirayeli, kwafika uTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wayithabatha i-Iyon, neAbhele-bhete-mahaka, neYanowa, neKedeshe, neHatsore, nelaseGiliyadi, nelaseGalili, lonke ilizwe lakwaNafetali; wabathimba, wabafudusa wabasa eAsiriya.
15:30b.2KI.015.030 UHoseya unyana kaEla wamceba uPeka unyana kaRemaliya, wamxabela, wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe ngomnyaka wamashumi amabini kaYotam, unyana kaUziya.
15:31b.2KI.015.031 Ezinye izinto zikaPeka, nako konke awakwenzayo, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.
15:32b.2KI.015.032 Ngomnyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uYotam unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda.
15:33b.2KI.015.033 Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka elishumi linamithandathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYerusha, intombi kaTsadoki.
15:34b.2KI.015.034 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; wenza njengako konke awakwenzayo u-Uziya uyise.
15:35b.2KI.015.035 Kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni. Yena walakha isango langasentla lendlu kaYehova.
15:36b.2KI.015.036 Ezinye izinto zikaYotam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
15:37b.2KI.015.037 Ngaloo mihla waqala uYehova ukuthumela kwaYuda uRetsin, ukumkani wakwa-Aram, noPeka unyana kaRemaliya.
15:38b.2KI.015.038 Walala uYotam kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide uyise; uAhazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
16
16:1b.2KI.016.001 Ngomnyaka weshumi elinesixhenxe kaPeka unyana kaRemaliya, waba ngukumkani uAhazi, unyana kaYotam, ukumkani wakwaYuda.
16:2b.2KI.016.002 UAhazi ubeminyaka imashumi mabini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka elishumi linamithandathu engukumkani eYerusalem. Akakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe, njengoDavide uyise.
16:3b.2KI.016.003 Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli; kananjalo wamcandisa emlilweni unyana wakhe, ngokwamasikizi eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
16:4b.2KI.016.004 Wabingelela, waqhumisela ezigangeni, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.
16:5b.2KI.016.005 Kwaza kwenyuka uRetsin, ukumkani wakwa-Aram, noPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, beza kulwa eYerusalem; bamngqinga uAhazi, ababa nako ukumeyisa.
16:6b.2KI.016.006 Ngelo xesha uRetsin ukumkani wakwa-Aram wayibuyisela iElati kuma-Aram, wawagxotha amaYuda e-Elati. Eza ama-Aram e-Elati, ahlala khona unanamhla.
16:7b.2KI.016.007 Wathumela abathunywa uAhazi kuTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wathi, Ndingumkhonzi wakho, ndingunyana wakho; nyuka uze kundisindisa esandleni sokumkani wakwa-Aram, nasesandleni sokumkani wakwaSirayeli, abandivunukeleyo.
16:8b.2KI.016.008 UAhazi wayithabatha isilivere negolide eyafumanekayo endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayithumela kukumkani waseAsiriya isisicengo.
16:9b.2KI.016.009 Ukumkani waseAsiriya wamphulaphula; wenyuka ukumkani waseAsiriya waya eDamasko, wayithimba, wabafudusa abantu wabasa eKiri, wambulala uRetsin.
16:10b.2KI.016.010 Ukumkani uAhazi waya kumhlangabeza uTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, eDamasko. Wabona isibingelelo esiseDamasko. UAhazi ukumkani wayithumela imfano yesibingelelo eso, isilinganiso saso ngokusetyenzwa kwaso konke, ku-Uriya umbingeleli.
16:11b.2KI.016.011 Wasakha ke isibingelelo u-Uriya umbingeleli, njengako konke abemthumele khona uAhazi ukumkani eDamasko. Wenjenjalo u-Uriya umbingeleli, wada wafika ukumkani uAhazi evela eDamasko.
16:12b.2KI.016.012 Weza ukumkani evela eDamasko, wasibona ukumkani isibingelelo eso; wasondela ukumkani kuso isibingelelo, wenyuka waya kuso;
16:13b.2KI.016.013 waqhumisela ngedini lakhe elinyukayo nangomnikelo wakhe wokudla, wathulula umnikelo wakhe othululwayo, watshiza ngegazi lemibingelelo yakhe yoxolo esibingelelweni.
16:14b.2KI.016.014 Ke isibingelelo sobhedu, esibe siphambi koYehova, wasisusa phambi kwendlu, phakathi kwesibingelelo sakhe nendlu kaYehova, wasisondeza, wasibeka ecaleni lesibingelelo ngentla.
16:15b.2KI.016.015 UAhazi ukumkani wamwisela umthetho u-Uriya umbingeleli, wathi, Phezu kwesibingelelo esikhulu qhumisela ngedini elinyukayo lokusa, nangomnikelo wokudla wangokuhlwa, nangedini elinyukayo lokumkani, nangomnikelo wakhe wokudla, nangedini elinyukayo labantu bonke belizwe, nangomnikelo wabo wokudla, nangeminikelo yabo ethululwayo, utshize kuso ngegazi lonke ledini elinyukayo, negazi lonke lombingelelo; ke sona isibingelelo sobhedu ndiya kukha ndibuzise ngaso.
16:16b.2KI.016.016 Wenza ke u-Uriya umbingeleli njengako konke awamwisela umthetho ngako ukumkani uAhazi.
16:17b.2KI.016.017 Ukumkani uAhazi waziqhawula iipanele zeenqwelwana, wazisusa kuzo iingqayi; waluthula ulwandle ezinkomeni zobhedu, ezibe zingaphantsi kwalo, walubeka phezu kwesiseko samatye.
16:18b.2KI.016.018 Igumbi elisithelisiweyo lesabatha, ababelakhe ngasendlwini, nendawo yokungena ukumkani ebingaphandle, wayishenxisela endlwini kaYehova, ngenxa yokumkani waseAsiriya.
16:19b.2KI.016.019 Ezinye izinto zika-Ahazi awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
16:20b.2KI.016.020 Walala uAhazi kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide; waba ngukumkani uHezekiya unyana wakhe esikhundleni sakhe.
17
17:1b.2KI.017.001 Ngomnyaka weshumi elinesibini ka-Ahazi ukumkani wakwaYuda, uHoseya, unyana kaEla, waba ngukumkani kwaSamari kumaSirayeli, iminyaka yasithoba.
17:2b.2KI.017.002 Wenza okubi emehlweni kaYehova; noko akaba njengookumkani bakwaSirayeli ababephambi kwakhe.
17:3b.2KI.017.003 UShalemanesere ukumkani waseAsiriya wenyuka, wamfikela uHoseya; waba ngumkhonzi wakhe, wamana emrholela iminikelo.
17:4b.2KI.017.004 Ke kaloku ukumkani waseAsiriya wamfumana uHoseya eliphamba, ngokuthi athume izigidimi kuSo, ukumkani wamaYiputa, angawunyusi awuse umnikelo kukumkani waseAsiriya, njengokweminyaka ngeminyaka; ukumkani waseAsiriya wamvalela ke, wamkhonkxa entolongweni.
17:5b.2KI.017.005 Ukumkani waseAsiriya waligqiba lonke ilizwe; wenyuka waya kumzi wakwaSamari, wawungqinga iminyaka emithathu.
17:6b.2KI.017.006 Ngomnyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani waseAsiriya wawuthimba umzi wakwaSamari, wawafudusela amaSirayeli eAsiriya, wawabeka eHala, naseHabhore, emlanjeni oyiGozan, nasemizini yamaMedi.
17:7b.2KI.017.007 Kwenzeka oko kuba oonyana bakaSirayeli bonayo kuYehova uThixo wabo, owabanyusayo ezweni lamaYiputa, wabarhola phantsi kwesandla sikaFaro ukumkani waseYiputa; boyika thixo bambi,
17:8b.2KI.017.008 bahamba emimiselweni yeentlanga, ebezigqogqe uYehova ebusweni boonyana bakaSirayeli, nakweyookumkani bakwaSirayeli, ababeyenzile.
17:9b.2KI.017.009 Oonyana bakaSirayeli benza ngasese izinto ezingezizo kuYehova uThixo wabo, bazakhela iziganga emizini yabo yonke, kwathabathela kwinqaba yababoniseli kwesa kumzi onqatyisiweyo.
17:10b.2KI.017.010 Bazimisela izimiso zamatye nooAshera ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza;
17:11b.2KI.017.011 baqhumisela khona ezigangeni zonke, njengeentlanga awazifudusayo uYehova ebusweni babo. Benza izinto ezimbi zokumqumbisa uYehova;
17:12b.2KI.017.012 bakhonza izigodo ezizizithixo, wathi uYehova kubo, Ize ningazenzi ezo nto.
17:13b.2KI.017.013 Waqononondisa uYehova kwaSirayeli nakwaYuda, ngabaprofeti bonke, iimboni ngeemboni, esithi, Buyani ezindleleni zenu ezimbi, nigcine imithetho yam, imimiselo yam, ngokomyalelo wonke endawumisela ooyihlo, endawuthumela kuni ngesandla sabakhonzi bam abaprofeti.
17:14b.2KI.017.014 Abeva, bazenza lukhuni iintamo zabo, njengeentamo zooyise abangakholwanga nguYehova uThixo wabo.
17:15b.2KI.017.015 Bayicekisa imimiselo yakhe, nomnqophiso wakhe awawenzayo nooyise babo, nezingqino zakhe awazingqinayo kubo; balandela izinto ezingento, baba ziinto ezingento, balandelana neentlanga ezibangqongileyo, awayebawisele umthetho uYehova ngazo, ukuba bangenzi njengazo.
17:16b.2KI.017.016 Bayishiya yonke imithetho kaYehova uThixo wabo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo, amathole amabini, benza uAshera, baqubuda kumkhosi wonke wezulu, bakhonza uBhahali.
17:17b.2KI.017.017 Bacandisa oonyana babo neentombi zabo emlilweni, bavumisa, bahlaba izihlabo, bazithengisela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba bamqumbise.
17:18b.2KI.017.018 UYehova waba nomsindo omkhulu kunene kumaSirayeli, wawasusa ebusweni bakhe, yaba sisizwe sakwaYuda sodwa esasalayo.
17:19b.2KI.017.019 KwanamaYuda akayigcinanga imithetho kaYehova uThixo wawo; ahamba ngemimiselo yamaSirayeli abeyenzile.
17:20b.2KI.017.020 Wayilahla ke uYehova yonke imbewu yakwaSirayeli, wabacinezela, wabanikela esandleni sabaphangi, wada wabagxotha ebusweni bakhe.
17:21b.2KI.017.021 Ngokuba wawakrazula amaSirayeli endlwini kaDavide; aza amenza ukumkani uYarobheham unyana kaNebhati. UYarobheham wawawexula amaSirayeli ekumlandeleni uYehova, wawonisa ngesono esikhulu.
17:22b.2KI.017.022 Bahamba oonyana bakaSirayeli ezonweni zonke zikaYarobheham awazenzayo abatyeka kuzo,
17:23b.2KI.017.023 wada uYehova wawasusa amaSirayeli ebusweni bakhe, njengoko wakuthethayo ngabakhonzi bakhe bonke, abaprofeti. Afuduswa ke amaSirayeli emhlabeni wawo, asiwa eAsiriya, unanamhla.
17:24b.2KI.017.024 Ke kaloku ukumkani waseAsiriya wazisa abantu, bevela eBhabheli, naseKuta, naseAva, naseHamati, naseSefarvayim, wababeka emizini yakwaSamari, esikhundleni soonyana bakaSirayeli. Balihlutha elakwaSamari, bahlala emizini yalo.
17:25b.2KI.017.025 Kwathi ekuqaleni kokuma kwabo khona, abamoyika uYehova; uYehova wathuma iingonyama phakathi kwabo; zaya zibulala phakathi kwabo.
17:26b.2KI.017.026 Bathetha ke kukumkani waseAsiriya, bathi, lintlanga ozifudusileyo, wazibeka emizini yelakwaSamari, azilazi isiko loThixo weli lizwe; uzithumele ke iingonyama; yabona, ziyazibulala, ngokokuba zingalazi isiko loThixo weli lizwe.
17:27b.2KI.017.027 Wawisa umthetho ukumkani waseAsiriya wathi, Yisani apho omnye wababingeleli enabafudusa khona, aye ahlale khona, abafundise isiko loThixo weli lizwe.
17:28b.2KI.017.028 Waya ke omnye wababingeleli, ababefudusiwe kwelakwaSamari, wahlala eBheteli, wamana ebafundisa ukuba mabathini na ukumoyika uYehova.
17:29b.2KI.017.029 Lwaye uhlanga ngohlanga lusenza oothixo balo, lubamisa ezindlwini zeziganga awazenzayo amaSamari, uhlanga ngohlanga emizini yalo, apho beluhlala khona.
17:30b.2KI.017.030 Amadoda aseBhabheli enza uSukoti-bhenoti; amadoda aseKuti enza uNeregale; amadoda aseHamati enza uAshima;
17:31b.2KI.017.031 awaseAya enza uNibhehas noTartake; awaseSefarvayim atshisa oonyana bawo ngomlilo kuAdrameleki noAnameleki, oothixo baseSefarvayim.
17:32b.2KI.017.032 Ebemoyika noYehova; azenzela eluntwini lonke ababingeleli beziganga, ababenzela amadini ezindlwini zeziganga.
17:33b.2KI.017.033 UYehova ayemoyika, oothixo bawo ebakhonza ngokwesiko leentlanga ababefuduswe kuzo.
17:34b.2KI.017.034 Unanamhla enza ngokwamasiko amhlamnene; akamoyiki uYehova, engenzi ngeyawo imimiselo nangelawo isiko, nangokomyalelo nomthetho, awabawiselayo uYehova oonyana bakaYakobi, awamnika igama elinguSirayeli.
17:35b.2KI.017.035 Wenza umnqophiso nabo uYehova, wabawisela umthetho, wathi, Ize ningoyiki thixo bambi, ningabanquli, ningabakhonzi, ningabingeleli kubo;
17:36b.2KI.017.036 nguYehova yedwa owaninyusayo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu nangengalo eyolukileyo; nguye eniya koyika yena, nimnqule, nibingelele kuye;
17:37b.2KI.017.037 imimiselo, namasiko, nomyalelo, nomthetho awanibhalelayo, nigcine ukwenza yona yonke imihla, ningoyiki thixo bambi;
17:38b.2KI.017.038 umnqophiso endawenza nani, ningawulibali wona, ningoyiki thixo bambi.
17:39b.2KI.017.039 NguYehova uThixo wenu yedwa eniya koyika yena; wonihlangula esandleni seentshaba zenu yena.
17:40b.2KI.017.040 Abaphulaphulanga; benza ngokwesiko labo lamhlamnene.
17:41b.2KI.017.041 Zaye zisithi ke ezo ntlanga zoyike uYehova, zikhonze nemifanekiso yazo eqingqiweyo kananjalo abantwana bazo, nabantwana babantwana bazo, njengoko benza ngako ooyise, benza ngako nabo unanamhla.
18
18:1b.2KI.018.001 Kwathi ngomnyaka wesithathu kaHoseya unyana kaEla, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uHezekiya, unyana ka-Ahazi ukumkani wakwaYuda.
18:2b.2KI.018.002 Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguAbhi, intombi kaZekariya.
18:3b.2KI.018.003 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uDavide uyise.
18:4b.2KI.018.004 Wazisusa iziganga, waziqhekeza izimiso zamatye, wamgawula uAshera, wayiqoba inyoka yobhedu awayenzayo uMoses; ngokuba kwada kwayiloo mini oonyana bakaSirayeli beqhumisela kuyo, kwathiwa loo nto lubhedu nje kodwa.
18:5b.2KI.018.005 Wakholosa ngoYehova uThixo kaSirayeli; emveni kwakhe akubangakho unjengaye phakathi kookumkani bonke bakwaYuda, naphakathi kwabo babekho ngaphambi kwakhe.
18:6b.2KI.018.006 Wanamathela kuYehova; akatyeka ekumlandeleni; wayigcina imithetho abethe uYehova wayiwisela uMoses.
18:7b.2KI.018.007 UYehova waba naye; wenza ngengqiqo ezintweni zonke aziphumeleyo. Wagwilika kukumkani waseAsiriya, akamkhonza.
18:8b.2KI.018.008 Yena wawaxabela amaFilisti, wada wesa eGaza nasemdeni wayo, wathabathela enqabeni yababoniseli, wesa emzini onqatyisiweyo.
18:9b.2KI.018.009 Kwathi ngomnyaka wesine wokumkani uHezekiya (lowo ngumnyaka wesixhenxe kaHoseya unyana kaEla, ukumkani wakwaSirayeli), wenyuka uShalemanesere, ukumkani waseAsiriya, wawufikela umzi wakwaSamari, wawungqinga.
18:10b.2KI.018.010 Bawuthimba ekupheleni kweminyaka emithathu, ngomnyaka wesithandathu kaHezekiya (lowo ngumnyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani wakwaSirayeli); wathinjwa ke umzi wakwaSamari.
18:11b.2KI.018.011 Ukumkani waseAsiriya wawafudusela amaSirayeli eAsiriya, wawa beka eHala, naseHabhore emlanjeni oyiGozan, nasemizini yamaMedi,
18:12b.2KI.018.012 ngenxa enokuba engaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wawo; esuka awugqitha umnqophiso wakhe, nako konke awawisa umthetho ngako uMoses umkhonzi kaYehova; akeva, akenza.
18:13b.2KI.018.013 Ke kaloku ngomnyaka weshumi elinesine wokumkani uHezekiya, wenyuka uSaneribhe, ukumkani waseAsiriya, waya kuyo yonke imizi enqatyisiweyo yakwaYuda, wayithabatha.
18:14b.2KI.018.014 UHezekiya ukumkani wakwaYuda wathumela kukumkani waseAsiriya eLakishe, esithi, Ndonile, buya umke kum; othe wakubeka phezu kwam ndokuthwala. Waza ukumkani waseAsiriya wabeka phezu koHezekiya ukumkani wakwaYuda amakhulu omathathu eetalente zesilivere, namashumi omathathu eetalente zegolide.
18:15b.2KI.018.015 UHezekiya wamnika yonke isilivere eyafunyanwa endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani.
18:16b.2KI.018.016 Ngelo xesha uHezekiya wayinqamla igolide yeengcango zetempile kaYehova, nemigubasi abeyalekile uHezekiya ukumkani wakwaYuda, wayinika ukumkani waseAsiriya.
18:17b.2KI.018.017 Ukumkani waseAsiriya wasusa uTartan noRabhesarisi noRabheshake eLakishe, baya kukumkani uHezekiya eYerusalem, benempi enzima. Benyuka baya eYerusalem. Benyuka ke, bafika, bema emjelweni wechibi langasentla, osemendweni wentsimi yomsuki weengubo.
18:18b.2KI.018.018 Bamemeza kukumkani. Kwaphuma kwaya kubo uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu.
18:19b.2KI.018.019 Wathi kubo uRabheshake, Khanithi kuHezekiya, Utsho ukumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Yeyani na le nkoloseko ukholose ngayo?
18:20b.2KI.018.020 Uthi (uthetha into yomlomo wodwa), uneqhinga nobugorha bokulwa. Ukholose ngabani na, ugwilike kum nje?
18:21b.2KI.018.021 Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, imngene esandleni, imhlabe. Unjalo uFaro, ukumkani waseYiputa, kubo bonke abakholose ngaye.
18:22b.2KI.018.022 Ke ukuba nithi kum, Sikholose ngoYehova uThixo wethu; ndithi, Asinguye na lo uziganga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, watsho kumaYuda nakwiYerusalem ukuthi, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo eYerusalem apha?
18:23b.2KI.018.023 Khawubekelane kaloku nenkosi yam ukumkani waseAsiriya: ndokunika amawaka amabini amahashe, ukuba unako ukundinika abakhweli bokukhwela kuwo.
18:24b.2KI.018.024 Wothini na ukubujika ubuso benkosana enye, yakubo abancinane babakhonzi benkosi yam, ukholose nje ngeYiputa ngeenqwelo zokulwa, nangabamahashe?
18:25b.2KI.018.025 Ngokunje ndinyuke ndeza kuyonakalisa le ndawo, ndingenaye uYehova yini na? NguYehova lo uthe kum, Nyuka, uye kulonakalisa eli lizwe.
18:26b.2KI.018.026 Wathi uEliyakim, unyana kaHilekiya, noShebhena, noYowa, kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram, kuba sisiva. Musa ukuthetha nathi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni.
18:27b.2KI.018.027 Wathi uRabheshake kubo, Inkosi yam indithume ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho na, nakuwe na? Asikula madoda ahleliyo eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani?
18:28b.2KI.018.028 Wema uRabheshake, wadanduluka ngelizwi elikhulu ngesiYuda, wathetha, wathi, Yivani ilizwi lokumkani omkhulu, lokumkani waseAsiriya:
18:29b.2KI.018.029 uthi ukumkani, Makanganilukuhli uHezekiya; ngokuba akayi kuba nako nkunihlangula esandleni sam.
18:30b.2KI.018.030 Makanganikholosisi ngoYehova uHezekiya, esithi, Inene, uya kusihlangula uYehova; lo mzi awusayi kunikelwa esandleni sokumkani waseAsiriya.
18:31b.2KI.018.031 Musani ukumphulaphula uHezekiya; ngokuba utsho ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Xolisanani nam, niphume nize kum, nidle elowo umdiliya wakhe, elowo umkhiwane wakhe, nisele elowo amanzi equla lakhe;
18:32b.2KI.018.032 ndide ndize ndinise ezweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lengqolowa newayini entsha, ilizwe lesonka nezidiliya, ilizwe lomnquma oneoli, elinobusi, nidle ubomi, ningafi. Musani ukumphulaphula uHezekiya; ngokuba uyaninyanga xa athi, UYehova uya kunihlangula.
18:33b.2KI.018.033 Oothixo beentlanga balihlangula na elowo ilizwi lakhe esandleni sokumkani waseAsiriya!
18:34b.2KI.018.034 Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? Baphi na oothixo baseSefarvayim, neHena, neIva, ukuba bangabi balihlangula elakwaSamari esandleni sam?
18:35b.2KI.018.035 Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe, olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam?
18:36b.2KI.018.036 Bathi tu abantu, abamphendula nalizwi; ngokuba umthetho wokumkani wona ubusithi, Ize ningamphenduli.
18:37b.2KI.018.037 Beza ke ooEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, kuHezekiya, bezikrazule iingubo zabo, bamxelela amazwi kaRabheshake.
19
19:1b.2KI.019.001 Kwathi, akukuva oko ukumkani uHezekiya, wazikrazula iingubo zakhe, wazigquma ngezirhwexayo, wangena endlwini kaYehova.
19:2b.2KI.019.002 Wathuma uEliyakim umphathi wendlu, noShebhena umbhali, namadoda amakhulu ababingeleli, ezigubungele ngezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amotse.
19:3b.2KI.019.003 Bathi kuye, Utsho uHezekiya ukuthi, Le mini yimini yembandezelo, neyokohlwaywa, neyogibo; ngokuba abantwana baze kufika emlonyeni wesizalo, tu ke amandla okuzala.
19:4b.2KI.019.004 Mhlawumbi uYehova uThixo wakho angaweva onke amazwi kaRabheshake, othunywe ngukumkani waseAsiriya inkosi yakhe, ukungcikiva uThixo ophilileyo; amohlwaye ngenxa yamazwi lawo awavileyo uYehova uThixo wakho. Nyusa ke umthandazo ngenxa yamaqongqolo asekhoyo.
19:5b.2KI.019.005 Baya ke abakhonzi bokumkani uHezekiya kuIsaya.
19:6b.2KI.019.006 Wathi uIsaya kubo, Notsho kwinkosi yenu ukuthi, Utsho uYehova ukuthi, Musa ukuwoyika amazwi owavileyo, abandinyelise ngawo abafana bokumkani waseAsiriya.
19:7b.2KI.019.007 Yabona, ndimfaka umoya, ukuba eve udaba olubi, abuye ke aye ezweni lakhe, ndimwise ngekrele ezweni lakhe.
19:8b.2KI.019.008 Wabuya ke uRabheshake, wamfumana ukumkani waseAsiriya esilwa neLibhena; ngokuba ebevile ukuba undulukile eLakishe.
19:9b.2KI.019.009 Weva kusithiwa ngoTiraka, ukumkani wakwaKushi, Nanko ephuma eza kulwa nawe. Wabuya wathumela abathunywa kuHezekiya, esithi,
19:10b.2KI.019.010 Notsho kuHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Musa ukulukuhlwa nguThixo wakho, okholose ngaye wena, usithi, Ayisayi kunikelwa iYerusalem esandleni sokumkani waseAsiriya.
19:11b.2KI.019.011 Uyabona, ukuvile wena oko bakwenzayo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa. Uya kuhlangulwa na ke wena?
19:12b.2KI.019.012 Oothixo beentlanga bazihlangula na ke ezo zatshatyalaliswa ngoobawo: iGozan, neHaran, neRetsefe, nabase-Eden ababeseTelasare?
19:13b.2KI.019.013 Uphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva?
19:14b.2KI.019.014 Wawathabatha uHezekiya amaphepha eencwadi ezandleni zabathunywa, wawalesa; wenyuka waya endlwini kaYehova, wawaneka uHezekiya phambi koYehova.
19:15b.2KI.019.015 Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo wakwaSirayeli, uhleli wena phakathi kweekerubhi, unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena uwenzile amazulu nehlabathi.
19:16b.2KI.019.016 Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve amazwi kaSaneribhe, othume ukungcikiva ngawo uThixo ophilileyo.
19:17b.2KI.019.017 Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya bazichithile iintlanga namazwe azo,
19:18b.2KI.019.018 babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba babengethixo, babengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshababalisa ke.
19:19b.2KI.019.019 Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, khawusisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi ukuba wena unguYehova uThixo wedwa.
19:20b.2KI.019.020 Wathumela ke uIsaya, unyana ka-Amotse, kuHezekiya, esithi, Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Okuthandazeleyo kum ngokubhekisele kuSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ndikuvile.
19:21b.2KI.019.021 Lilo eli ilizwi alithethileyo uYehova ngaye, Intombi eyintombi enguZiyon iyakudela, iyakugculela; intombi enguYerusalem ihlunguzela intloko emva kwakho.
19:22b.2KI.019.022 Ngubani na lo umngcikivileyo, umnyelisileyo? Ngubani na lo umphakamisele izwi lakho, uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.
19:23b.2KI.019.023 Ngabathunywa bakho uyingcikivile iNkosi, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyayigawula imisedare yayo emide kakhulu, nemisipres yayo enyuliweyo, ndifike kweyokuphela indawo yayo yokulalisa, ehlathini lentsimi yayo echumayo.
19:24b.2KI.019.024 Mna ndimbe ndasela amanzi abefudula engekho, ndayomisa ngeentende zeenyawo zam yonke imijelo yaseYiputa.
19:25b.2KI.019.025 Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba. Ndikufikisile, kwenzeka ngoku, ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe.
19:26b.2KI.019.026 Abemi bayo banqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, isihumba engqoloweni ingekabi mvila.
19:27b.2KI.019.027 Ke, ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam.
19:28b.2KI.019.028 Ngenxa yokundigugumela kwakho, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo.
19:29b.2KI.019.029 Ke kaloku nguwo lo umqondiso kuwe: lo mnyaka kodliwa ummilela, ngomnyaka wesibini kodliwa isihlabane, ngomnyaka wesithathu nohlwayela nivune, nityale izidiliya, nidle iziqhamo zazo;
19:30b.2KI.019.030 abasindileyo bendlu yakwaYuda, abo baseleyo, babuye bendelisele iingcambu phantsi, benze iziqhamo phezulu.
19:31b.2KI.019.031 Ngokuba kuya kuphuma eYerusalem abaseleyo, nabasindileyo entabeni yeZiyon. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko.
19:32b.2KI.019.032 Ngako oko utsho uYehova ngokubhekisele kukumkani waseAsiriya, ukuthi, Akayi kungena kulo mzi; akayi kutola notolo kuwo; akayi kuwuzela enengweletshetshe, akayi kuwufumbela ludonga lwakungqinga.
19:33b.2KI.019.033 Uya kubuya ngendlela aweza ngayo; akasayi kungena kulo mzi; utsho uYehova.
19:34b.2KI.019.034 Ndiya kuwukhusela lo mzi, ndiwusindise ngenxa yam, nangenxa kaDavide umkhonzi wam.
19:35b.2KI.019.035 Kwathi ngobo busuku, kwaphuma isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu lamawaka. Bavuka kusasa, nango, ezizidumbu ezifileyo onke.
19:36b.2KI.019.036 Wanduluka wahamba, wabuya uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, wahlala eNineve.
19:37b.2KI.019.037 Kwathi, enqula endlwini kaNiseroki uthixo wakhe, bamxabela ngekrele ooAdrameleki noSharetsere, oonyana bakhe. Baza basabela ezweni laseArarati. UEsar-hadon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
20
20:1b.2KI.020.001 Ngaloo mihla wayesifa uHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti uIsaya, unyana ka-Amotse, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela; ngokuba uya kufa wena, akuyi kuphila.
20:2b.2KI.020.002 Wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, esithi,
20:3b.2KI.020.003 Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambe phambi kwakho ngokunyanisa nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Wasitsho uHezekiya isililo esikhulu.
20:4b.2KI.020.004 Kwathi, uIsaya engekaphumi kophakathi umzi, lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,
20:5b.2KI.020.005 Buya uye kuthi kuHezekiya, inganga yabantu bam, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho; uyabona, ndiya kukuphilisa; ngomhla wesithathu uya kunyuka uye endlwini kaYehova;
20:6b.2KI.020.006 ndongeze kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka; ndikuhlangule wena nalo mzi esandleni sokumkani waseAsiriya, ndiwukhusele lo mzi ngenxa yam, nangenxa kaDavide umkhonzi wam.
20:7b.2KI.020.007 Wathi uIsaya, Thabathani isicumba samakhiwane; basithabatha ke, babeka ethumbeni, waphila.
20:8b.2KI.020.008 Wathi uHezekiya kuIsaya, Uyintoni na umqondiso wokuba uYehova uya kundiphilisa, ndinyuke ndiye endlwini kaYehova ngomhla wesithathu?
20:9b.2KI.020.009 Wathi uIsaya, Nangu ke umqondiso kuwe, uphuma kuYehova, wokuba uya kulenza uYehova ilizwi alithethileyo: Isithunzi sihambe na izinyuko ezilishumi, sibuye na izinyuko ezilishumi?
20:10b.2KI.020.010 Wathi uHezekiya, Kulula kwisithunzi ukoluka izinyuko ezilishumi; hayi, isithunzi masibuye umva izinyuko ezilishumi.
20:11b.2KI.020.011 UIsaya umprofeti wamnqula uYehova, wasibuyisa umva isithunzi izinyuko zalishumi, esasihle zona esinyukweni sika-Ahazi.
20:12b.2KI.020.012 Ngelo xesha uBherodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; ngokuba ubevile ukuba uHezekiya ubesifa.
20:13b.2KI.020.013 Wabeva uHezekiya, wababonisa yonke indlu yakhe yengqwebo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yeentonga zakhe, nento yonke eyayikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe, nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya.
20:14b.2KI.020.014 Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? Abevela ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Abevela ezweni elikude eBhabheli.
20:15b.2KI.020.015 Wathi, Abone ntoni na endlwini yakho? Wathi uHezekiya, Abone into yonke esendlwini yam; akubangakho nto ndingababonisanga yona ebuncwaneni bam.
20:16b.2KI.020.016 Wathi uIsaya kuHezekiya, Live ilizwi likaYehova.
20:17b.2KI.020.017 Uyabona, kuza imihla eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebayo ooyihlo kwada kwayile mini, ithwalelwe eBhabheli, kungasali nto, utsho uYehova;
20:18b.2KI.020.018 bathabathe nakoonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, babe ngababusi ebhotweni lokumkani waseBhabheli.
20:19b.2KI.020.019 Wathi uHezekiya kuIsaya, Lilungile ilizwi likaYehova olithethileyo. Wathi, Akunjalo na ukuba kuya kubakho ukuxola nokunyanisa ngeyam imihla?
20:20b.2KI.020.020 Ezinye izinto zikaHezekiya, nobugorha bakhe bonke, nokwenza kwakhe ichibi nomjelo, nokuwangenisa kwakhe amanzi kuwo umzi, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
20:21b.2KI.020.021 Walala uHezekiya kooyise; uManase, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
21
21:1b.2KI.021.001 UManase ubeminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamihlanu engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHefetsibha.
21:2b.2KI.021.002 Wenza okubi emehlweni kaYehova, ngokwamasikizi eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
21:3b.2KI.021.003 Wabuya wazakha iziganga, awayezidilizile uHezekiya uyise, wammisela uBhahali izibingelelo, wenza ooAshera, njengoko wenzayo uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, waqubuda kumkhosi wonke wezulu, wawukhonza.
21:4b.2KI.021.004 Wakha izibingelelo endlwini kaYehova, leyo wathi uYehova ngayo, Ndiya kulibeka eYerusalem igama lam.
21:5b.2KI.021.005 Wawakhela izibingelelo wonke umkhosi wezulu ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova.
21:6b.2KI.021.006 Wamcandisa unyana wakhe emlilweni, waba litola, wahlaba izihlabo, wamisa abaneshologu noosiyazi, waphikela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise.
21:7b.2KI.021.007 Wawumisa umfanekiso oqingqiweyo ka-Ashera abewenzile, endlwini leyo wayethe ngayo uYehova kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kuyo le ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli, ndiya kulibeka khona igama lam ngonaphakade;
21:8b.2KI.021.008 ndingaphindi ndilushukumise unyawo lwamaSirayeli emhlabeni endawunika ooyise; kodwa makabe aya kugcina ukwenza njengako konke endiwawisele umthetho ngako, nanjengokomyalelo wonke awawawiselayo umkhonzi wam uMoses.
21:9b.2KI.021.009 Akaphulaphula ke; wawalukuhla uManase, ukuba enze okubi, ngaphezu kweentlanga awazitshabalalisayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
21:10b.2KI.021.010 Wathetha uYehova ngabakhonzi bakhe abaprofeti, esithi,
21:11b.2KI.021.011 Ngenxa enokuba uManase, ukumkani wakwaYuda, ewenzile loo masikizi, wenza okubi okungaphezulu kwako konke awakwenzayo ama-Amori, abengaphambi kwakhe, wawonisa namaYuda ngezigodo zakhe ezizizithixo:
21:12b.2KI.021.012 ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiyizisela iYerusalem neYuda ububi, eziya kuthi nzwi iindlebe zombini zabo bonke ababuvayo.
21:13b.2KI.021.013 Ndololula phezu kweYerusalem ulutya lokulinganisa lwakwaSamari, nelothe yokulinganisa yendlu ka-Ahabhi, ndiyisule iYerusalem njengosula isitya, asisule, asisibeke.
21:14b.2KI.021.014 Ndowalahla amasalela elifa lam, ndibanikele esandleni seentshaba zabo, ukuba baphangwe bathinjwe zizo zonke iintshaba zabo;
21:15b.2KI.021.015 ngenxa enokuba benze okubi emehlweni am, bandiqumbisa, kususela kwimini abaphuma ngayo ooyise eYiputa unanamhla.
21:16b.2KI.021.016 Kananjalo igazi elimsulwa uliphalaze lalininzi kunene uManase, yada yazala iYerusalem, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye; sisodwa sona isono sakhe awawonisayo ngaso amaYuda, ngokwenza okubi emehlweni kaYehova.
21:17b.2KI.021.017 Ezinye izinto zikaManase, nako konke awakwenzayo, nesono sakhe awonayo ngazo, asibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
21:18b.2KI.021.018 Walala uManase kooyise, wangcwatyelwa emyezweni wendlu yakhe, emyezweni kaUza.
21:19b.2KI.021.019 UAmon unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMeshulemete, intombi kaHarutse waseYotebha.
21:20b.2KI.021.020 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise.
21:21b.2KI.021.021 Wahamba ngendlela yonke awahamba ngayo uyise; wazikhonza izigodo ezizizithixo awazikhonzayo uyise, waqubuda kuzo.
21:22b.2KI.021.022 Wamshiya uYehova, uThixo wooyise, akahamba ngendlela kaYehova.
21:23b.2KI.021.023 Bamceba abakhonzi baka-Amon, bambulala ukumkani lowo endlwini yakhe.
21:24b.2KI.021.024 Abantu belizwe elo bababulala bonke abo babecebe ukumkani uAmon. Bathi abantu belizwe elo bamenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.
21:25b.2KI.021.025 Ezinye izinto zika-Amon awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
21:26b.2KI.021.026 Wangcwatyelwa engcwabeni lakhe, emyezweni kaUza. UYosiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
22
22:1b.2KI.022.001 UYosiya ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mathathu anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYedida, intombi ka-Adaya waseBhotsekati.
22:2b.2KI.022.002 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela yonke kaDavide uyise; akatyekela ngasekunene nangasekhohlo.
22:3b.2KI.022.003 Kwathi ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYosiya, ukumkani wathuma uShafan, unyana ka-Atsaliya, unyana kaMeshulam, umbhali, endlwini kaYehova, esithi,
22:4b.2KI.022.004 Nyuka uye kuHilekiya umbingeleli omkhulu, ayilungise imali ezisiweyo endlwini kaYehova, abayilulanganisileyo abagcini-mnyango ebantwini.
22:5b.2KI.022.005 Mabayinikele esandleni sabenzi bomsebenzi, abayikhangelayo indlu kaYehova, bayinikele kubenzi bomsebenzi osendlwini kaYehova, zitywinwe iintanda zendlu;
22:6b.2KI.022.006 bayinikele kwiingcibi zemithi, nakubakhi, nakwabakha ngamatye; kuthengwe imithi namatye axholiweyo, kuhlaziywe indlu.
22:7b.2KI.022.007 Kodwa bekungabalelwana nabo ngemali ebinikelwe esandleni sabo; ngokuba basebenza benyanisekile.
22:8b.2KI.022.008 Wathi uHilekiya, umbingeleli omkhulu, kuShafan umbhali, Incwadi yomyalelo ndiyifumene endlwini kaYehova. UHilekiya wamnika uShafan incwadi leyo, wayilesa.
22:9b.2KI.022.009 Weza ke uShafan umbhali kukumkani, wambuyisela ilizwi ukumkani, wathi, Bayikhuphele abakhonzi bakho imali eyafumanekayo endlwini, bayinikela esandleni sabenzi bomsebenzi abayikhangelayo indlu kaYehova.
22:10b.2KI.022.010 Waxela ke uShafan umbhali kukumkani, esithi, UHilekiya umbingeleli undinike incwadi. Wayilesa uShafan phambi kokumkani.
22:11b.2KI.022.011 Kwathi, akuweva ukumkani amazwi encwadi yomyalelo, wasuka wazikrazula iingubo zakhe.
22:12b.2KI.022.012 Ukumkani wabawisela umthetho ooHilekiya umbingeleli, noAhikam unyana kaShafan, noAkebhore unyana kaMikaya, noShafan umbhali, noAsaya umkhonzi wokumkani, esithi,
22:13b.2KI.022.013 Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yabantu, nangenxa yamaYuda onke, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo; ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova esibaselwe bona, ngenxa enokuba oobawo bengawaphulaphulanga amazwi ale ncwadi, ukuba benze njengako konke kubhaliweyo kuyo ngathi.
22:14b.2KI.022.014 Waya ke uHilekiya umbingeleli, noAhikam, noAkebhore, noShafan, noAsaya, kuHulda umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTikva, unyana kaHar-hase, umgcini-ngubo (waye yena ehleli eYerusalem kwesesibini isahlulo sayo), bathetha naye.
22:15b.2KI.022.015 Wathi kubo, Utsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Nothi kuloo ndoda inithumileyo kum,
22:16b.2KI.022.016 Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyizisela ububi le ndawo nabemi bayo, onke amazwi encwadi ayilesileyo ukumkani wakwaYuda.
22:17b.2KI.022.017 Ngethuba lokuba bendishiyile mna, baqhumisela thixweni bambi, ukuba bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo, yothi le ndawo ibaselwe ubushushu bam, bungacinywa.
22:18b.2KI.022.018 Ke kukumkani wakwaYuda onithume ukubuzisa kuYehova, notsho kuye ukuthi, Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi: Okwala mazwi uwavileyo,
22:19b.2KI.022.019 ngokokuba ibithambile intliziyo yakho, wazithoba phambi koYehova, ekukuveni kwakho endikuthethileyo ngale ndawo, nangabemi bayo, ukuba beya kuba ziimpanza nesiqalekiso, wazikrazula iingubo zakho, walila phambi kwam, nam ndikuvile; utsho uYehova.
22:20b.2KI.022.020 Ngako oko, uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amehlo akho bonke ububi endibuzisela le ndawo. Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.
23
23:1b.2KI.023.001 Wathumela ukumkani; ahlanganiselana kuye onke amadoda amakhulu akwaYuda neYerusalem.
23:2b.2KI.023.002 Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi bonke baseYerusalem kunye naye, nababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, kwathabathela komncinane kwesa komkhulu. Wawalesa ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso eyafunyanwa endlwini kaYehova.
23:3b.2KI.023.003 Wema ukumkani phezu kwendawo ephakamileyo, wenza umnqophiso phambi koYehova, wokulandela uYehova, nokugcina imithetho yakhe, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, ngentliziyo yonke, nangomphefumlo wonke, nokuwamisa onke amazwi alo mnqophiso abhaliweyo kule ncwadi; bema ke bonke abantu emnqophisweni lowo.
23:4b.2KI.023.004 Ukumkani wamwisela umthetho uHilekiya, umbingeleli omkhulu, nababingeleli bolwesibini udidi, nabagcini-mnyango, wokuba bazikhuphe ebhotweni likaYehova zonke iimpahla ezaye zenzelwe uBhahali, noAshera, nomkhosi wonke wezulu. Wazitshisela ngaphandle kweYerusalem emaphandleni aseKidron, uthuthu lwazo walusa eBheteli.
23:5b.2KI.023.005 Wabaphelisa ababingeleli abangengabo, ababethe ookumkani bakwaYuda babamisela ukuqhumisela ezigangeni, emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem; nabaqhumisela kuBhahali, nakwilanga, nakwinyanga, nakwiinkwenkwezi, nakumkhosi wonke wezulu.
23:6b.2KI.023.006 Wamkhupha uAshera endlwini kaYehova, wamsa ngaphandle kweYerusalem, emlanjaneni oyiKidron, wamtshisela emlanjaneni oyiKidron; bamcola waluthuli; waluphosa uthuli lwakhe phezu kwamangcwaba oonyana babantu.
23:7b.2KI.023.007 Wazidiliza izindlu zamangawu ezibe zisendlwini kaYehova, apho amankazana abemlukela khona uAshera iintente.
23:8b.2KI.023.008 Wabathabatha bonke ababingeleli emizini yakwaYuda, wazenza inqambi iziganga, apho babeqhumisela khona ababingeleli, ethabathela eGebha ase eBher-shebha, wazidiliza iziganga zamasango, ezisekungeneni kwesango likaYoshuwa, umphathi womzi, nezisekhohlo komntu ongena esangweni lomzi.
23:9b.2KI.023.009 Kodwa ke ababingeleli abo beziganga abenyukanga beze esibingelelweni sikaYehova eYerusalem; banela ukudla izonka ezingenagwele phakathi kwabazalwana babo.
23:10b.2KI.023.010 Wayenza inqambi iTofete, esemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze kungabikho mntu umcandisa emlilweni kuMoleki unyana wakhe, nokuba yintombi yakhe.
23:11b.2KI.023.011 Wawasusa amahashe abemiselwe ilanga ngookumkani bakwaYuda, ekungeneni endlwini kaYehova, ngasegumbini likaNetan-meleki umbusi, elibe lingaphandle; wazitshisa neenqwelo zelanga ngomlilo.
23:12b.2KI.023.012 Nezibingelelo ezibe ziphezu kophahla lwegumbi eliphezulu lika-Ahazi, abazenzayo ookumkani bakwaYuda, nezibingelelo awazenzayo uManase ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova, wazidiliza ukumkani, wazikhanda kwakhona, waluphosa emlanjeni oyiKidron uthuli lwazo.
23:13b.2KI.023.013 Neziganga eziphambi kweYerusalem, ezibe zisekunene kwentaba yolonakaliso, awayethe uSolomon ukumkani wakwaSirayeli wazakhela uAshtoreti, into enezothe yamaTsidon, noKemoshe, into enezothe yamaMowabhi, noMilikom, isikizi loonyana baka-Amon, wazenza inqambi ukumkani.
23:14b.2KI.023.014 Waziqhekeza nezimiso zamatye, wabagawula ooAshera, wazizalisa iindawo zazo ngamathambo abantu.
23:15b.2KI.023.015 Kananjalo isibingelelo esibe siseBheteli, isiganga awasenzayo uYarobheham, unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli, eso sibingelelo neso siganga wasidiliza; wasitshisa isiganga, wasicola saluthuli; wamtshisa uAshera.
23:16b.2KI.023.016 Wabheka uYosiya, wawabona amangcwaba abekhona entabeni, wathumela, wawathabatha amathambo emangcwabeni lawo, wawatshisela phezu kwesibingelelo, wasenza inqambi ngokwelizwi likaYehova, awalimemezayo umfo wakwaThixo, owawamemezayo la mazwi.
23:17b.2KI.023.017 Wathi, Lelani na elaa litye lithe nkqampu ndilibonayo? Athi kuye amadoda aloo mzi, Lingcwaba lomfo wakwaThixo, owavela kwaYuda, wamemeza ezi zinto uzenzileyo kwisibingelelo saseBheteli.
23:18b.2KI.023.018 Wathi, Myekeni; makangashukunyiswa mntu amathambo akhe. Bawasindisa ke amathambo akhe, namathambo omprofeti owavela kwaSamari.
23:19b.2KI.023.019 Kananjalo zonke izindlu zeziganga, ezibe zisemizini yakwaSamari, abazenzayo ookumkani bamaSirayeli ukuba bamqumbise uYehova, wazisusa uYosiya; wenza kuzo ngokwezenzo zonke awazenzayo eBheteli.
23:20b.2KI.023.020 Wababingelela bonke ababingeleli beziganga ababekhona, phezu kwezibingelelo; watshisa amathambo abantu phezu kwazo. Wabuya ke weza eYerusalem.
23:21b.2KI.023.021 Ukumkani wabawisela umthetho abantu bonke, wathi, Yenzani ipasika kuYehova, uThixo wenu, ngoko kubhaliweyo encwadini yalo mnqophiso.
23:22b.2KI.023.022 Ngokuba bekungazanga kwenziwe pasika ngokwale pasika, kususela kwimihla yabagwebi ababelawula amaSirayeli, nangemihla yonke yookumkani bakwaSirayeli, nookumkani bakwaYuda.
23:23b.2KI.023.023 Kwaba ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYosiya, ukwenziwa kwale pasika kuYehova eYerusalem.
23:24b.2KI.023.024 Kananjalo ke abaneshologu, noosiyazi, nemilonde-khaya, nezigodo ezizizithixo, neento zonke ezinezothe, ezibe zibonwa ezweni lakwaYuda naseYerusalem, wazitshayela uYosiya, ukuze amise amazwi omyalelo abhaliweyo encwadini abeyifumene uHilekiya umbingeleli endlwini kaYehova.
23:25b.2KI.023.025 Ngaphambi kwakhe akubangakho kumkani unjengaye, ubuyeleyo kuYehova ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, nangamandla akhe onke, ngokomyalelo wonke kaMoses; nangasemva kwakhe akuvelanga unjengaye.
23:26b.2KI.023.026 Akabuyanga noko uYehova ekuvutheni komsindo wakhe omkhulu, umsindo wakhe owavutha kumaYuda, ngenxa yokuqumbisa konke abequmbise ngako uManase.
23:27b.2KI.023.027 Wathi uYehova, Ndiya kuwasusa namaYuda ebusweni bam, njengokuba ndawasusayo amaSirayeli, ndiwulahle lo mzi ndawunyulayo, iYerusalem le, nendlu le ndathi, Liya kuba kuyo igama lam.
23:28b.2KI.023.028 Ezinye izinto zikaYosiya, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
23:29b.2KI.023.029 Ngemihla yakhe wenyuka uFaro-neko, ukumkani waseYiputa, waya kulwa nokumkani waseAsiriya, emlanjeni ongumEfrati. Wahamba ukumkani uYosiya, waya kumhlangabeza; wambulala eMegido, akumbona.
23:30b.2KI.023.030 Bamthwala ngenqwelo abakhonzi bakhe, efele eMegido, bamsa eYerusalem, bamngcwabela engcwabeni lakhe. Abantu belizwe bathabatha uYehowahazi unyana kaYosiya, bamthambisa, bamenza ukumkani esikhundleni sikayise.
23:31b.2KI.023.031 UYehowahazi ubeminyaka imashumi mabini anamithathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; zaba ntathu iinyanga engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena.
23:32b.2KI.023.032 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke abakwenzayo ooyise.
23:33b.2KI.023.033 UFaro-neko wamkhonkxa eRibhela, ezweni laseHamati, ukuze angabi ngukumkani eYerusalem. Ilizwe walihlahlisa ikhulu leetalente zesilivere, netalente yegolide.
23:34b.2KI.023.034 UFaro-neko wamenza ukumkani uEliyakim, unyana kaYosiya, esikhundleni sikaYosiya uyise, waliguqula igama lakhe languYehoyakim. Ke wamthabatha uYehowahazi, weza naye eYiputa; wafela khona.
23:35b.2KI.023.035 UYehoyakim wayinika uFaro isilivere leyo negolide leyo; kodwa ke walihlahlisa ilizwe ukuba anike imali ngokomlomo kaFaro, elowo ngokuhlahliswa kwakhe. Wabaqhuba abantu belizwe, ukuba bayirhole isilivere negolide, ukuba ayinike uFaro-neko.
23:36b.2KI.023.036 UYehoyakim ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi linamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguZebhuda, intombi kaPedaya waseRuma.
23:37b.2KI.023.037 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke abakwenzayo ooyise.
24
24:1b.2KI.024.001 Ngemihla yakhe kwenyuka uNebhukadenetsare, ukumkani weBhabheli. UYehoyakim waba ngumkhonzi kuye iminyaka emithathu, wabuya wagwilika kuye.
24:2b.2KI.024.002 UYehova wamthumela izimpi zamaKaledi, nezimpi zama-Aram, nezimpi zakwaMowabhi, nezimpi zoonyana baka-Amon, wazithumela elakwaYuda, ukuba zilitshabalalise ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngabakhonzi bakhe abaprofeti.
24:3b.2KI.024.003 Kwaye kungomlomo kaYehova wodwa ukwenzeka kwale nto kumaYuda, ukuba awasuse ebusweni bakhe ngenxa yezono zikaManase, njengako konke awakwenzayo;
24:4b.2KI.024.004 nangenxa yegazi elingenatyala awaliphalazayo; wayizalisa iYerusalem ngegazi elingenatyala; akavumanga uYehova ukuxolela.
24:5b.2KI.024.005 Ezinye izinto zikaYehoyakim, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
24:6b.2KI.024.006 Walala uYehoyakim kooyise; uYehoyakin, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
24:7b.2KI.024.007 Akabanga saphinda ukumkani waseYiputa aphume ezweni lakhe; ngokuba ukumkani waseBhabheli wayezithimbile zonke izinto ezizezokumkani waseYiputa, eqalele emlanjeni waseYiputa, wada wesa emlanjeni ongumEfrati.
24:8b.2KI.024.008 UYehoyakin ubeminyaka ilishumi elinesibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; zantathu iinyanga engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguNehushta, intombi kaElinatan waseYerusalem.
24:9b.2KI.024.009 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uyise.
24:10b.2KI.024.010 Ngelo xesha benyuka abakhonzi bakaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, beza eYerusalem; wangqingwa umzi lowo.
24:11b.2KI.024.011 Wawufikela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, bewungqingile abakhonzi bakhe.
24:12b.2KI.024.012 Waphuma uYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, waya kukumkani waseBhabheli, yena nonina, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nababusi bakhe; ukumkani waseBhabheli wamthabatha ke ngomnyaka wesibhozo wobukumkani bakhe.
24:13b.2KI.024.013 Warhola khona bonke ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wazinqunqa zonke iimpahla zegolide, awazenzayo uSolomon ukumkani wakwaSirayeli etempileni kaYehova, njengoko wakuthethayo uYehova.
24:14b.2KI.024.014 Wayifudusa yonke iYerusalem, nabathetheli bonke, namagorha onke anobukroti, ishumi lamawaka abathinjwa, zonke iingcibi nabakhandi; akwasala mntu, yaba ngamahlwempu elizwe odwa asalayo.
24:15b.2KI.024.015 Wamfudusa uYehoyakin, wamsa eBhabheli, nonina wokumkani, nabafazi bokumkani, nababusi bakhe, neenjengele zelizwe; wabafudusa eYerusalem abathinjwa abo, wabasa eBhabheli;
24:16b.2KI.024.016 namadoda onke anobukroti angamawaka asixhenxe, neengcibi nabakhandi abaliwaka, onke amagorha anokulwa; abo ukumkani waseBhabheli wabasa bengabathinjwa eBhabheli.
24:17b.2KI.024.017 Ukumkani waseBhabheli wamenza uMataniya, uyisekazi kaYehoyakin, ukumkani esikhundleni sakhe; waliguqula igama lakhe languZedekiya.
24:18b.2KI.024.018 UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena.
24:19b.2KI.024.019 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uYehoyakim.
24:20b.2KI.024.020 Ngokuba ngenxa yomsindo kaYehova kwenzeka oko eYerusalem nakwaYuda, wada wabalahla ebusweni bakhe. UZedekiya wamana egwilika kukumkani waseBhabheli.
25
25:1b.2KI.025.001 Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli; yena nempi yakhe yonke wayirhawula; wakha iinqaba zokubonisela ngeenxa zonke.
25:2b.2KI.025.002 Wangqingwa ke umzi, kwada kwangumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya.
25:3b.2KI.025.003 Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesine yaqina indlala phakathi komzi; ababa nasonka abantu belizwe.
25:4b.2KI.025.004 Wagqojozwa umzi, asaba onke amadoda okulwa ngobusuku, ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye amaKaledi ewujikelezile umzi); wahamba ukumkani ngendlela yaseArabha.
25:5b.2KI.025.005 Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfikela ezinkqantosini zaseYeriko, yamphalala, yemka kuye yonke impi yakhe.
25:6b.2KI.025.006 Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela; lathethwa apho ityala lakhe.
25:7b.2KI.025.007 Abasika oonyana bakaZedekiya ekhangele; amtyhaphaza amehlo uZedekiya, amkhonkxa ngamakhamandela obhedu, amsa eBhabheli.
25:8b.2KI.025.008 Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lwesixhenxe enyangeni leyo (loo mnyaka ke ngoweshumi elinesithoba engukumkani uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli), kwafika uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki babantu, umkhonzi wokumkani waseBhabheli, eYerusalem.
25:9b.2KI.025.009 Wayitshisa indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nezindlu zonke zaseYerusalem; izindlu zonke ezinkulu wazitshisa ngomlilo.
25:10b.2KI.025.010 Iindonga zaseYerusalem yazidiliza ngeenxa zonke impi leyo yamaKaledi, ebinomthetheli wabasiki babantu.
25:11b.2KI.025.011 Amasalela abantu ababesele phakathi komzi, namaphamba awayephambele kukumkani waseBhabheli, namasalela engxokolo, wawafudusa uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki babantu.
25:12b.2KI.025.012 Ke umphathi wabasiki babantu wawasalisa amahlwempu elizwe, ukuze abe ngabasebenzi bezidiliya nabalimi.
25:13b.2KI.025.013 Iintsika zobhedu ezibe zisendlwini kaYehova, neenqwelwana, nolwandle lobhedu obe lusendlwini kaYehova, ezo zinto aziqhekeza amaKaledi, aluthwalela eBhabheli ubhedu lwazo.
25:14b.2KI.025.014 Athabatha neembiza, nemihlakulwana, nezitshetshe, neenkamba, neempahla zonke zobhedu ebe kulungiselelwa ngazo.
25:15b.2KI.025.015 Umphathi wabasiki babantu wathabatha nezitya, izitya zokutshiza, igolide kwezegolide, isilivere kwezesilivere;
25:16b.2KI.025.016 neentsika zombini, ulwandle olunye, neenqwelwana, awazenzela indlu kaYehova uSolomon; alwaba nakulinganiswa ubhedu lwezo mpahla zonke.
25:17b.2KI.025.017 Ukuphakama kwenye intsika bekuziikubhite ezilishumi elinesibhozo, ingqukuva yayo iyeyobhedu; ukuphakama kwengqukuva bekuziikubhite ezintathu; umnatha neerharnate ezibe zisengqukuveni ngeenxa zonke, yonke loo nto yabe ilubhedu; intsika yesibini yabe ikwanjalo, kunye nomnatha wayo.
25:18b.2KI.025.018 Umphathi wabasiki babantu wamthabatha uSeraya, umbingeleli oyintloko, noZefaniya, umbingeleli wolwesibini udidi, nabagcini-mnyango bobathathu.
25:19b.2KI.025.019 Kuwo umzi wathabatha umbusi wamnye, awayengumphathi wamadoda okulwa; namadoda amahlanu kwabehlala nokumkani, awafunyanwayo phakathi komzi; nombhali womthetheli womkhosi, obesakuhlanganisa abantu belizwe; namadoda amashumi mathandathu kubantu belizwe, awafunyanwayo phakathi komzi.
25:20b.2KI.025.020 Wabathabatha abo uNebhuzaradan, umphathi wabasiki babantu, wabasa kukumkani waseBhabheli eRibhela.
25:21b.2KI.025.021 Wabaxabela ukumkani waseBhabheli, wababulalela eRibhela ezweni laseHamati. Afuduswa ke amaYuda emhlabeni wawo.
25:22b.2KI.025.022 Ke abantu abasalayo ezweni lakwaYuda, awabasalisayo uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, wabamisela umphathi onguGedaliya, unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan.
25:23b.2KI.025.023 Bakuva ke bonke abathetheli bemikhosi, bona namadoda abo, akuba ukumkani waseBhabheli umenze umphathi uGedaliya, beza kuGedaliya lowo eMizpa; bengooIshmayeli unyana kaNetaniya, noYohanan unyana kaKareha, noSeraya, unyana kaTanumete waseNetofa, noYahazaniya unyana kaMahakati, bona namadoda abo.
25:24b.2KI.025.024 Wabafungela bona namadoda abo uGedaliya, wathi kubo, Musani ukuboyika abakhonzi bamaKaledi; hlalani kweli lizwe, nikhonze ukumkani waseBhabheli, konilungela.
25:25b.2KI.025.025 Ke kaloku kwathi ngenyanga yesixhenxe, kweza uIshmayeli unyana kaNetaniya, unyana kaElishama, wasembewini yookumkani, enamadoda alishumi, bamxabela uGedaliya, wafa, namaYuda namaKaledi abenaye eMizpa.
25:26b.2KI.025.026 Besuka ke bonke abantu, bethabathela komncinane bezisa komkhulu, nabathetheli bemikhosi, baya eYiputa; ngokuba babewoyika amaKaledi.
25:27b.2KI.025.027 Kwathi ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe wokufuduswa kukaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo: uEvili-merodaki, ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wokwenziwa kwakhe ukumkani, wayiphakamisa intloko kaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, wamkhupha entolongweni.
25:28b.2KI.025.028 Wathetha naye kakuhle, wayimisa itrone yakhe, yangaphezu kwetrone yookumkani ababenaye eBhabheli.
25:29b.2KI.025.029 Zakhululwa iingubo zakhe zasentolongweni, wamana ukudla isonka phambi kwakhe yonke imihla yokuphila kwakhe.
25:30b.2KI.025.030 Wawunikwa umxhesho wakhe, umxhesho wamaxesha onke, uvela kukumkani: into yemini ngangemini yayo, yonke imihla yokuphila kwakhe.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. 2 Kings (Xhosa). 2 Kings (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C397-1