1 Kings (Xhosa)

1 Kings (Xhosa)

1

1:1b.1KI.001.001 Ke kaloku ukumkani uDavide ubeseleyindoda enkulu, ehambisekile ebudaleni; bamgubungela ngeengubo, akaba nakufudumala noko.

1:2b.1KI.001.002 Bathi abakhonzi bakhe kuye, Inkosi yethu ukumkani mayifunelwe inkakazana eseyintombi, ime phambi kokumkani, imonge, ilale esifubeni sakhe, ifudumale inkosi yethu ukumkani.

1:3b.1KI.001.003 Bafuna ke intombi eyinzwakazi emideni yonke yakwaSirayeli, bafumana uAbhishagi waseShunem, bamzisa kukumkani.

1:4b.1KI.001.004 Inkakazana leyo yayiyinzwakazi encamisileyo, yamonga ukumkani, yamlungiselela; ukumkani akayazi.

1:5b.1KI.001.005 Waza uAdoniya unyana kaHagiti waziphakamisa, wathi, Ndiya kuba ngukumkani. Wazenzela iinqwelo zokulwa, nabamahashe, namadoda angamashumi omahlanu okutshayelela phambi kwakhe.

1:6b.1KI.001.006 Uyise ebengamenzanga buhlungu nemini enye ngokuthi, Yini na ukuba wenjenje? Kananjalo ubengumfo osiqu sihle; unina wamzala emva koAbhisalom.

1:7b.1KI.001.007 Wacebisana noYowabhi, unyana kaTseruya, noAbhiyatare umbingeleli; bancedisa, balandela uAdoniya.

1:8b.1KI.001.008 Ke bona ooTsadoki umbingeleli, noBhenaya unyana kaYehoyada, noNatan umprofeti, noShimehi, noRehi, namagorha abe kuDavide, ababanga ngakuAdoniya.

1:9b.1KI.001.009 UAdoniya wabingelela impahla emfutshane neenkomo ezityetyisiweyo ngasetyeni laseZohelete, elisecaleni le-En-rogele; wamema bonke abazalwana bakhe, oonyana bokumkani, namadoda onke akwaYuda, abakhonzi bokumkani.

1:10b.1KI.001.010 Ke bona ooNatan umprofeti, noBhenaya, namagorha, noSolomon umkhuluwa wakhe, akabamema.

1:11b.1KI.001.011 Wathetha uNatan kuBhatshebha, unina kaSolomon, wathi, Akuvanga na ukuba uAdoniya, unyana kaHagiti, ungukumkani; ukanti inkosi yethu uDavide ayiyazi loo nto?

1:12b.1KI.001.012 Yiza ke ngoko, ndikuphe iqhinga, usize umphefumlo wakho, nomphefumlo wonyana wakho uSolomon.

1:13b.1KI.001.013 Hamba uye kukumkani uDavide, uthi kuye, Wawungamfungelanga na umkhonzazana wakho, wena nkosi yam, kumkani, wathi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam? Kungani na ke ukuba abe ngukumkani uAdoniya?

1:14b.1KI.001.014 Uyabona, ndothi, usathetha apho nokumkani, ndingene nam emva kwakho, ndiwazalise amazwi akho.

1:15b.1KI.001.015 Waya ke uBhatshebha kukumkani egumbini; ke ukumkani ubeseleyindoda enkulu kunene: uAbhishagi waseShunem ubelungiselela ukumkani.

1:16b.1KI.001.016 Wathoba uBhatshebha, waqubuda kukumkani. Wathi ukumkani, Unga ntoni na?

1:17b.1KI.001.017 Wathi yena kuye, Nkosi yam, wena wamfungela uYehova uThixo wakho umkhonzazana wakho, wathi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam.

1:18b.1KI.001.018 Kaloku nanku inguAdoniya ukumkani; kanti akwazi wena, nkosi yam kumkani.

1:19b.1KI.001.019 Ubingelele iinkomo nezinto ezityetyisiweyo, nempahla emfutshane yaninzi, wamema bonke oonyana bokumkani, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi umthetheli-mkhosi; akammema ke yena uSolomon umkhonzi wakho.

1:20b.1KI.001.020 Wena, nkosi yam kumkani, amehlo amaSirayeli onke akuwe, ukuba uwaxelele, ukuba kuhlale bani na etroneni yenkosi yam ukumkani emveni kwayo.

1:21b.1KI.001.021 Kothi, xa ithe yalala kooyise inkosi yam ukumkani, sibe ngaboni, thina noSolomon unyana wam.

1:22b.1KI.001.022 Uthe esathetha nokumkani, nanko kufika uNatan umprofeti.

1:23b.1KI.001.023 Waxelelwa ukumkani, kwathiwa, Nanku uNatan umprofeti. Wafika ke phambi kokumkani, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni;

1:24b.1KI.001.024 wathi uNatan, Nkosi yam kumkani, utshilo na wena ukuthi, UAdoniya uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam?

1:25b.1KI.001.025 Ngokuba uhlile namhlanje, wabingelela iinkomo nezinto ezityetyisiweyo, nempahla emfutshane yaninzi, wamema bonke oonyana bokumkani, nabathetheli-mkhosi, noAbhiyatare umbingeleli; nabo ke besidla besela phambi kwakhe, besithi, Makadle ubomi ukumkani uAdoniya.

1:26b.1KI.001.026 Ke akandimemanga mna mkhonzi wakho, noTsadoki umbingeleli, noBhenyana unyana kaYehoyada, noSolomon umkhonzi wakho.

1:27b.1KI.001.027 Ingaba ivela kwinkosi yam ukumkani na le nto, waza akwabazisa abakhonzi bakho oya kuhlala etroneni yenkosi yam ukumkani emveni kwayo?

1:28b.1KI.001.028 Waphendula ukumkani uDavide, wathi, Bizani uBhatshebha eze kum. Weza ke phambi kokumkani, wema phambi kokumkani.

1:29b.1KI.001.029 Wafunga ukumkani, wathi, Ehleli nje uYehova, owawukhululayo umphefumlo wam ekubandezelekeni konke;

1:30b.1KI.001.030 inene, njengoko ndakufungela uYehova uThixo kaSirayeli, ndisithi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam esikhundleni sam: inene, ndiya kwenjenjalo namhla.

1:31b.1KI.001.031 Wathoba ke uBhatshebha ngobuso emhlabeni, waqubuda kukumkani, wathi, Mayidle ubomi inkosi yam, ukumkani uDavide, ngonaphakade.

1:32b.1KI.001.032 Wathi ukumkani uDavide, Babizeni beze kum apha uTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada. Beza ke phambi kokumkani.

1:33b.1KI.001.033 Wathi ukumkani kubo, Thabathani abakhonzi benkosi yenu, bahambe nani, nikhwelise uSolomon unyana wam kowam undlebende, nihle naye niye eGihon;

1:34b.1KI.001.034 bamthambisele khona ooTsadoki umbingeleli noNatan umprofeti, abe ngukumkani kumaSirayeli; nivuthele izigodlo, nithi, Makadle ubomi ukumkani uSolomon.

1:35b.1KI.001.035 Nize ninyuke, nimlandele; eze ahlale etroneni yam; abe ngukumkani yena esikhundleni sam. Ndimmisile ukuba abe yinganga kumaSirayeli nakumaYuda.

1:36b.1KI.001.036 Waphendula uBhenaya unyana kaYehoyada, wathi kukumkani, Amen; makatsho uYehova uThixo wenkosi yam ukumkani.

1:37b.1KI.001.037 Njengokuba uYehova wayenenkosi yam ukumkani, ngokunjalo uya kuba noSolomon, ayikhulise itrone yakhe ngaphezu kwetrone yenkosi yam ukumkani uDavide.

1:38b.1KI.001.038 Wehla ke uTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada, nabancinithi, nezigidimi; bamkhwelisa uSolomon kundlebende wokumkani uDavide, baya naye eGihon.

1:39b.1KI.001.039 UTsadoki umbingeleli wathabatha isigodlo seoli ententeni, wamthambisa uSolomon, wavuthela izigodlo, bathi bonke abantu, Makadle ubomi ukumkani uSolomon!

1:40b.1KI.001.040 Benyuka bonke abantu, bamlandela, abantu bebetha ugwali, bevuya ngemivuyo emikhulu; wathi ndi umhlaba ngesandi sabo.

1:41b.1KI.001.041 Beva ooAdoniya nabamenywa bakhe bonke, bakukhova ukudla. Wasiva uYowabhi isandi sesigodlo, wathi, Sesani na esi sandi sizamazamisa isixeko?

1:42b.1KI.001.042 Uthe esathetha, nanko kufika uYonatan unyana ka-Abhiyatare umbingeleli. Wathi uAdoniya, Ngena, ngokuba ungumfo onesidima, uza neendaba ezilungileyo.

1:43b.1KI.001.043 Waphendula uYonatan, wathi kuAdoniya, Hayi, inkosi yethu ukumkani uDavide imenze ukumkani uSolomon.

1:44b.1KI.001.044 Ukumkani umkhuphe noTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada, nabancinithi, nezigidimi, bamkhwelisa kundlebende wokumkani;

1:45b.1KI.001.045 ooTsadoki umbingeleli noNatan umprofeti bamthambisa ukuba abe ngukumkani eGihon. Benyuka, besuka apho bevuya, sazamazama ke isixeko. Siso ke eso esi sandi nisivayo.

1:46b.1KI.001.046 Kananjalo uSolomon uselehleli etroneni yobukumkani.

1:47b.1KI.001.047 Kananjalo bafikile abakhonzi bokumkani, beza kubonga inkosi yethu, ukumkani uDavide, bathi, UThixo wakho makalilungise igama likaSolomon ngaphezu kwegama lakho, ayikhulise itrone yakhe ngaphezu kwetrone yakho; waqubuda ukumkani esililini.

1:48b.1KI.001.048 Kananjalo wenjenje ukumkani ukuthetha, wathi, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, ondinikileyo namhla owokuhlala etroneni yam, esabona nje amehlo am.

1:49b.1KI.001.049 Bothuka ke bonke abamenywa baka-Adoniya, besuka, bahamba elowo indlela yakhe.

1:50b.1KI.001.050 Woyika uAdoniya ebusweni bukaSolomon, wesuka, waya wabambelela ezimpondweni zesibingelelo.

1:51b.1KI.001.051 Waxelelwa uSolomon, kwathiwa, Nanko uAdoniya esoyika ukumkani uSolomon; nanko ebambelele ezimpondweni zesibingelelo, esithi, Makandifungele namhlanje ukumkani uSolomon, athi, akayi kumbulala ngekrele umkhonzi wakhe.

1:52b.1KI.001.052 Wathi ke uSolomon, Ukuba uthe wangumfo onesidima, akusayi kuwa lunwele lwakhe emhlabeni; ke ukuba kuthe kwafunyanwa ububi kuye, uya kufa.

1:53b.1KI.001.053 Wathumela ukumkani uSolomon, bamhlisa esibingelelweni; waya waqubuda kukumkani uSolomon. Wathi uSolomon kuye, Hamba ugoduke.

2

2:1b.1KI.002.001 Yasondela imihla kaDavide yokuba afe; wamwisela umthetho uSolomon unyana wakhe, wathi,

2:2b.1KI.002.002 Ndihamba indlela yehlabathi lonke; yomelela ke ube yindoda,

2:3b.1KI.002.003 ugcine isigxina sikaYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, nezingqino zakhe, njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, ukuze ube nengqiqo ezintweni zonke othe wazenza, nasezintweni zonke othe wasinga kuzo;

2:4b.1KI.002.004 ukuze alimise uYehova ilizwi lakhe awalithethayo ngam, esithi, Ukuba bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, ukuba bahambe phambi kwam enyanisweni ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, (esithi) akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaSirayeli.

2:5b.1KI.002.005 Kananjalo wena uya kwazi awakwenzayo kum uYowabhi unyana kaTseruya, awakwenzayo kubathetheli ababini bemikhosi yakwaSirayeli, kuAbhinere unyana kaNere, nakuAmasa unyana kaYetere, awababulalayo, waphalaza amagazi emfazwe, lixolile, wabeka amagazi emfazwe embhinqweni wakhe obusesinqeni sakhe, nasezimbadadeni zakhe ezisezinyaweni.

2:6b.1KI.002.006 Yenza ngokobulumko bakho, zingehli izimvi zakhe ziye kwelabafileyo enoxolo.

2:7b.1KI.002.007 Ke koonyana bakaBharzilayi waseGiliyadi, uze wenze ngenceba, babe kwabadla etafileni yakho; ngokuba benjenjalo ukuza kum ekusabeni kwam ebusweni buka-Abhisalom, umkhuluwa wakho.

2:8b.1KI.002.008 Uyabona, unawe uShimehi unyana kaGera, umBhenjamin, waseBhahurim; yena wanditshabhisa ngotshabhiso olukhulu, mini ndaya eMahanayim. Yena ke wehla weza kundikhawulela eYordan, ndamfungela uYehova, ndathi, Andiyi kukubulala ngekrele.

2:9b.1KI.002.009 Ngoko uze ungamenzi omsulwa, ngokuba uyindoda elumkileyo wena; uze ukwazi oko uya kukwenza kuye; uzihlisele kwelabafileyo zinegazi izimvi zakhe.

2:10b.1KI.002.010 Walala ke uDavide kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide.

2:11b.1KI.002.011 Ke imihla abengukumkani kumaSirayeli uDavide ibingamashumi omane eminyaka; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe; eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.

2:12b.1KI.002.012 Wahlala ke uSolomon etroneni kaDavide uyise; baqiniseka kunene ubukumkani bakhe.

2:13b.1KI.002.013 Ke kaloku waya uAdoniya, unyana kaHagiti, kuBhatshebha unina kaSolomon. Wathi yena, Uza ngoxolo na? Wathi, Ngoxolo.

2:14b.1KI.002.014 Wathi, Ndinelizwi nawe. Wathi, Thetha.

2:15b.1KI.002.015 Wathi, Uyazi wena ukuba bebubobam ubukumkani, abe ebubhekise kum ubuso bawo onke amaSirayeli, ukuba ndibe ngukumkani. Bathi guququ ubukumkani, baba bobomninawa wam; ngokuba baba bobakhe, buphuma kuYehova.

2:16b.1KI.002.016 Kungokunje ndicela nto-nye kuwe, uze ungandilanduleli.

2:17b.1KI.002.017 Wathi kuye, Thetha. Wathi ke, Khawuthethe noSolomon ukumkani, ngokuba akayi kukulandulela, andinike uAbhishagi waseShunem, abe ngumkam.

2:18b.1KI.002.018 Wathi uBhatshebha, Kulungile, ndokuthethelela kukumkani.

2:19b.1KI.002.019 Waya ke uBhatshebha kukumkani uSolomon, ukuba athethe naye ngoAdoniya. Wesuka ukumkani waya kumkhawulela, waqubuda kuye, wahlala etroneni yakhe, wammisela itrone unina wokumkani, wahlala ke ngasekunene kwakhe.

2:20b.1KI.002.020 Wathi, Ndicela nto-nye kuwe; uze ungandilanduleli. Wathi ke ukumkani kuye, Cela, ma, ngokuba andiyi kukulandulela.

2:21b.1KI.002.021 Wathi yena, UAbhishagi waseShunem makanikwe uAdoniya, umkhuluwa wakho, abe ngumkakhe.

2:22b.1KI.002.022 Waphendula ukumkani uSolomon, wathi kunina, Yini na ukuba uAdoniya umcelele uAbhishagi waseShunem? Sewumcelela nobukumkani, ngokuba ungumkhuluwa wam; ucelele yena, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi unyana kaTseruya.

2:23b.1KI.002.023 Ukumkani uSolomon wafunga uYehova, wathi, Makenjenje uThixo kum, aqokele ukwenjenje, ukuba uAdoniya akalithethanga elo lizwi elahla umphefumlo wakhe.

2:24b.1KI.002.024 Ngoko, ehleli nje uYehova, ondiqinisileyo, wandihlalisa etroneni kaDavide ubawo, wandenzela indlu njengoko wakuthethayo, uya kubulawa namhlanje uAdoniya.

2:25b.1KI.002.025 Ukumkani uSolomon wathumela ke ngoBhenaya unyana kaYehoyada; wamgwaza, wafa.

2:26b.1KI.002.026 NakuAbhiyatare umbingeleli wathi ukumkani, Hamba uye eAnatoti, emhlabeni wakho; ngokuba ungumfo wokufa; ke andiyi kukubulala ngale mini; ngokuba wayithwala ityeya yeNkosi uYehova phambi koDavide ubawo, nangokuba ubucinezelwe kuko konke abecinezelwe kuko ubawo.

2:27b.1KI.002.027 USolomon wamgxotha uAbhiyatare ekubeni ngumbingeleli kaYehova; ukuze alizalise ilizwi likaYehova, awalithethayo ngendlu kaEli eShilo.

2:28b.1KI.002.028 Lwafika olu daba kuYowabhi; ngokuba uYowabhi wayethelele kuAdoniya, noko wayengathelelanga kuAbhisalom. UYowabhi wasabela ententeni kaYehova, wabambelela ezimpondweni zesibingelelo.

2:29b.1KI.002.029 Waxelelwa ukumkani uSolomon, ukuba uYowabhi usabele ententeni kaYehova; nanko ecaleni lesibingelelo. USolomon wathuma uBhenaya unyana kaYehoyada, wathi, Yiya umgwaze.

2:30b.1KI.002.030 Waya uBhenaya ententeni kaYehova, wathi kuye, Uthi ukumkani, Phuma. Wathi yena, Hayi; ndiya kufela apha. UBhenaya wambuyisela ukumkani ilizwi, esithi, Wenjenje ukuthetha uYowabhi, wenjenje ukundiphendula.

2:31b.1KI.002.031 Wathi ukumkani kuye, Yenza njengoko athethe ngako, umgwaze, umngcwabe, uwasuse kum nakwindlu kabawo amagazi amsulwa, awawaphalazayo uYowabhi.

2:32b.1KI.002.032 UYehova wolibuyisela entlokweni yakhe igazi lakhe, owawela amadoda amabini angamalungisa, alungileyo kunaye, wawabulala ngekrele, engazi ubawo uDavide, angooAbhinere unyana kaNere, umthetheli-mkhosi wakwaSirayeli, noAmasa unyana kaYetere, umthetheli-mkhosi wakwaYuda.

2:33b.1KI.002.033 Obuyela amagazi awo entlokweni kaYowabhi, nasentlokweni yembewu yakhe ngonaphakade; kuDavide, nakwimbewu yakhe, nakwindlu yakhe, nakwitrone yakhe, ibe luxolo olungunaphakade, luvela kuYehova.

2:34b.1KI.002.034 Wenyuka ke uBhenaya unyana kaYehoyada, wamgwaza, wambulala; wangcwatyelwa endlwini yakhe entlango.

2:35b.1KI.002.035 Ukumkani wamisa uBhenaya, unyana kaYehoyada, esikhundleni sakhe phezu komkhosi; ukumkani wamisa uTsadoki umbingeleli esikhundleni sika-Abhiyatare.

2:36b.1KI.002.036 Wathumela ukumkani, wabiza uShimehi, wathi kuye, Zakhele indlu eYerusalem, uhlale khona, ungaphumi khona, uye phi naphi;

2:37b.1KI.002.037 kothi, mini uthe waphuma, wawela umlanjana oyiKidron, wazi inene ukuba uya kufa; igazi lakho loba phezu kwentloko yakho.

2:38b.1KI.002.038 Wathi uShimehi kukumkani, Lilungile elo lizwi; njengoko ithethe ngako inkosi yam ukumkani, uya kwenjenjalo umkhonzi wakho. Wahlala ke uShimehi eYerusalem imihla emininzi.

2:39b.1KI.002.039 Kwathi ekupheleni kweminyaka emithathu, kwazimela izicaka ezibini zikaShimehi, zaya kuAkishe unyana kaMahaka, ukumkani waseGati. Waxelelwa uShimehi, kwathiwa, Yabona, izicaka zakho ziseGati.

2:40b.1KI.002.040 Wesuka uShimehi, wabopha iesile lakhe, waya eGati kuAkishe, efuna izicaka zakhe ezo; uShimehi waya eGati, weza nazo izicaka zakhe.

2:41b.1KI.002.041 Waxelelwa uSolomon, ukuba uShimehi uphumile eYerusalem, waya eGati wabuya.

2:42b.1KI.002.042 Wathumela ke ukumkani, wambiza uShimehi, wathi kuye, Bendingakufungise uYehova yini na, ndakuqononondisa, ndisithi, Mini uthe waphuma waya phi naphi, yazi inene ukuba uya kufa? Wathi ke wena kum, Lilungile elo lizwi, ndilivile.

2:43b.1KI.002.043 Kungani na ke ukuba ungasigcini isifungo sikaYehova, nomthetho endakuwiselayo?

2:44b.1KI.002.044 Wathi ukumkani kuShimehi, Uyabazi wena bonke ububi obaziwa yintliziyo yakho, owabenzayo kuDavide ubawo; uya bubuyisela uYehova ububi bakho kwasentlokweni yakho;

2:45b.1KI.002.045 asikelelwe ukumkani uSolomon, iqiniseke itrone kaDavide phambi koYehova, kude kuse ephakadeni.

2:46b.1KI.002.046 Ukumkani wamwisela ke umthetho uBhenaya unyana kaYehoyada; waphuma wamgwaza, wafa. Ubukumkani baqiniseka esandleni sikaSolomon.

3

3:1b.1KI.003.001 USolomon ke wakha ubuhlobo noFaro ukumkani wamaYiputa; wazeka intombi kaFaro, wayizisa emzini kaDavide, wada wayigqiba ukuyakha indlu yakhe, nendlu kaYehova, nodonga lwaseYerusalem ngeenxa zonke.

3:2b.1KI.003.002 Kodwa ke abantu babebingelela ezigangeni; ngokuba belingekakhelwa ndlu igama likaYehova, kwada kwayiloo mihla.

3:3b.1KI.003.003 USolomon ubemthanda uYehova, ehamba emimiselweni kaDavide uyise; kodwa ke ubebingelela eqhumisela ezigangeni yena.

3:4b.1KI.003.004 Ukumkani ubesiya eGibheyon, ukuba abingelele khona; ngokuba ibisiso isiganga esikhulu; uSolomon wenyusa iwaka lamadini anyukayo kweso sibingelelo.

3:5b.1KI.003.005 UYehova wabonakala kuSolomon eGibheyon apho ngephupha ebusuku, wathi uThixo, Cela into, ndikuphe.

3:6b.1KI.003.006 Wathi uSolomon, Wena wenza inceba enkulu kumkhonzi wakho uDavide ubawo, njengoko abehamba phambi kwakho enyanisweni, nasebulungiseni, nangokuthi tye kwentliziyo kuwe, wamgcinela le nceba inkulu, wamnika unyana ohleli etroneni yakhe, njengokuba kunjalo namhla.

3:7b.1KI.003.007 Kaloku, Yehova Thixo wam, wena umenze umkhonzi wakho lo wangukumkani esikhundleni sikaDavide ubawo; ndingumntwana omncinane; andikwazi ukuphuma nokungena.

3:8b.1KI.003.008 Umkhonzi wakho lo uphakathi kwabantu bakho obanyulileyo, abantu abaninzi, abangenakubalwa, abangenakuxelwa ukuba baninzi.

3:9b.1KI.003.009 Mnike umkhonzi wakho intliziyo evayo, yokubalawula abantu bakho, ahlule phakathi kokulungileyo nokungendawo; ngokuba ngubani na onako ukubalawula abantu bakho aba bangaka?

3:10b.1KI.003.010 Lalunga elo lizwi emehlweni eNkosi ukuba uSolomon acele loo nto.

3:11b.1KI.003.011 Wathi ke uThixo kuye, Ngenxa enokuba ucele le nto, akwazicelela imihla emininzi, akwazicelela ubutyebi, akwazicelela ubomi beentshaba zakho, wazicelela ukuqonda ukuba uwathethe amatyala: uya bona, ndenze ngokwelizwi lakho.

3:12b.1KI.003.012 Uyabona, ndikunikile intliziyo enobulumko enokuqonda, ekungabangakho unjengawe phambi kwakho, ekungayi kuvela unjengawe emva kwakho.

3:13b.1KI.003.013 Kananjalo oko ungakucelanga ndikunikile nako, kwaubutyebi nozuko, ukuba kungabikho mntu unjengawe phakathi kookumkani yonke imihla yakho.

3:14b.1KI.003.014 Ke ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ngokuyigcina imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ndoyolula imihla yakho.

3:15b.1KI.003.015 Wavuka uSolomon, O! liphupha. Waya ke eYerusalem, wema phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, wenyusa amadini anyukayo, wenza imibingelelo yokubulela, wabenzela isidlo abakhonzi bakhe bonke.

3:16b.1KI.003.016 Ngelo xesha kweza kukumkani amankazana amabini angamahenyukazi, ema phambi kwakhe.

3:17b.1KI.003.017 Yathi enye inkazana, Camagu, nkosi yam! Thina nale nkazana sihlala ndlwini-nye; ndazala, ndinayo kuloo ndlu.

3:18b.1KI.003.018 Kwathi ngosuku lwesithathu ndizele, yazala nayo le nkazana, sindawonye ke; kwaye kungekho mntu wasemzini unathi kuloo ndlu, sisodwa thina sobabini kuloo ndlu.

3:19b.1KI.003.019 Wafa unyana wale nkazana ebusuku, ngokusuka ilale phezu kwakhe.

3:20b.1KI.003.020 Yavuka phakathi kobusuku, yamthabatha unyana wam ecaleni lam, elele umkhonzazana wakho lo, yamlalisa esifubeni sayo, yathi unyana wayo ofileyo yamlalisa esifubeni sam.

3:21b.1KI.003.021 Ndavuka kusasa, ukuba ndimanyise unyana wam, O! ufile; ndaza ndamgqala kusasa, yini le, asingunyana wam endamzalayo.

3:22b.1KI.003.022 Yathi enye inkazana, Hayi, ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo. Yathi le, Hayi; unyana wakho ngulowa ufileyo, unyana wam ngulo uhleliyo. Benjenjalo ukuthetha phambi kokumkani.

3:23b.1KI.003.023 Wathi ukumkani, Le ithi, Ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo; leya ithi, Hayi, unyana wakho ngulowa ufileyo, ngunyana wam lo uhleliyo.

3:24b.1KI.003.024 Wathi ukumkani, Ndithabatheleni ikrele. Balizisa ke ikrele phambi kokumkani.

3:25b.1KI.003.025 Wathi ukumkani, Mcandeni kubini lo mntwana uhleliyo, niyinike isahlulo enye, niyinike isahlulo enye.

3:26b.1KI.003.026 Yathetha le nkazana, ungowayo unyana ohleliyo, kukumkani (ngokuba ibisikwayimfesane ngonyana wayo), yathi, Camagu, nkosi yam, seniyinika lo mntwana uhleliyo; musani ukumbulala afe. Ke enye le yathi, Makangabi ngowam, makangabi ngowakhe; mcandeni.

3:27b.1KI.003.027 Waphendula ukumkani, wathi, Mnikeni leya umntwana ohleliyo, ningambulali; nguye unina.

3:28b.1KI.003.028 Asiva onke amaSirayeli isigwebo agwebe ngaso ukumkani; amoyika ukumkani; ngokuba ayebona ukuba ubulumko bukaThixo buphakathi kwakhe, ukuba enze isigwebo.

4

4:1b.1KI.004.001 Ukumkani uSolomon waba ngukumkani wamaSirayeli onke.

4:2b.1KI.004.002 Ngabo aba ke abathetheli abenabo: nguAzariya, unyana kaTsadoki, umbingeleli;

4:3b.1KI.004.003 ngooElihorefe noAhiya, oonyana bakaShisha, ababhali; nguYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu;

4:4b.1KI.004.004 nguBhenaya, unyana kaYehoyada, obephethe umkhosi; ngooTsadoki noAbhiyatare ababingeleli;

4:5b.1KI.004.005 nguAzariya, unyana kaNatan, obephethe abongameli; nguZabhudi, unyana kaNatan, umbingeleli, obengumhlobo wokumkani;

4:6b.1KI.004.006 nguAhishare obephethe indlu; nguAdoniram unyana ka-Abheda, obephethe abafakwa uviko.

4:7b.1KI.004.007 USolomon ubenabongameli abalishumi elinababini phezu kwamaSirayeli onke, ababemxhasa ukumkani nendlu yakhe: elowo ubexhasa ngenyanga yakhe ngomnyaka.

4:8b.1KI.004.008 Ngawo ke la amagama abo: nguBhen-hure, wakweleentaba lakwaEfrayim;

4:9b.1KI.004.009 nguBhen-dekere eMakatse, naseShahalebhim, naseBhete-shemeshe, nase-Elon-bhete-hanan;

4:10b.1KI.004.010 nguBhen-hesede eArubhoti; yayikuye iSoko, nelizwe lonke lakwaHefere;

4:11b.1KI.004.011 nguBhen-abhinadabhi ezindulini zonke zaseDore: uTafati intombi kaSolomon ibingumkakhe;

4:12b.1KI.004.012 nguBhahana unyana ka-Ahiludi eTahanaki naseMegido, naseBhete-shehan yonke esecaleni laseTsaretan, ezantsi kweYizereli, kwathabathela eBhete-shehan, kwesa eAbhele-mehola, kwesa ele kowakwaYokemeham;

4:13b.1KI.004.013 nguBhen-gebhere eRamoti yaseGiliyadi, enamagxamesi akwaYahire unyana kaManase aseGiliyadi, enommandla waseArgobhi oseBhashan: amashumi amathandathu emizi emikhulu eneendonga nemivalo yobhedu;

4:14b.1KI.004.014 nguAhinadabhi unyana kaIdo, eMahanayim;

4:15b.1KI.004.015 nguAhimahatse kwaNafetali: yena kananjalo wazeka uBhasemati, intombi kaSolomon, yangumkakhe;

4:16b.1KI.004.016 nguBhahana unyana kaHushayi, kwa-Ashere naseAloti;

4:17b.1KI.004.017 nguYehoshafati unyana kaParuwa, kwaIsakare;

4:18b.1KI.004.018 nguShimehi unyana kaEla, kwaBhenjamin; nguGebhere unyana kaUri,

4:19b.1KI.004.019 elizweni laseGiliyadi, ezweni lakwaSihon ukumkani wama-Amori, nelakwaOgi ukumkani waseBhashan; ekuphela komongameli obekwelo zwe.

4:20b.1KI.004.020 AmaYuda namaSirayeli ebemaninzi, enjengentlabathi engaselwandle ukuba maninzi, esidla, esela, evuya.

4:21b.1KI.004.021 USolomon ubelawula ezikumkanini zonke, ethabathela kuwo uMlambo, naselizweni lamaFilisti, wesa nasemdeni weYiputa, zizisa iminikelo, zimkhonza uSolomon yonke imihla yobomi bakhe.

4:22b.1KI.004.022 Ke ukudla kukaSolomon kwamini-nye bekungamashumi omathathu eekore zomgubo ocoliweyo, namashumi omathandathu eekore zomgubo,

4:23b.1KI.004.023 ishumi leenkomo ezityetyisiweyo, namashumi omabini eenkomo zasemadlelweni, nekhulu lempahla emfutshane, ewodwa amaxhama, namabhadi, namanqa, neenkuku ezityetyisiweyo.

4:24b.1KI.004.024 Ngokuba ubenobukhosi kulo lonke eliphesheya kwawo uMlambo, lithabathela eTifesa lesa eGaza, kookumkani bonke abaphesheya koMlambo. Wayenoxolo ngeenxa zonke kuye.

4:25b.1KI.004.025 Ahlala amaYuda namaSirayeli ekholosile, elowo ehleli phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, ethabathela kwaDan esa eBher-shebha, yonke imihla kaSolomon.

4:26b.1KI.004.026 USolomon wayenamawaka amane emikhumbi yezitali zamahashe eenqwelo zakhe, neshumi elinamabini lamawaka amahashe akhwelwayo.

4:27b.1KI.004.027 Abo bongameli babemxhasa ukumkani uSolomon, nabo bonke abasondela etafileni yokumkani uSolomon, elowo exhasa ngenyanga yakhe; bekungasweleki nto.

4:28b.1KI.004.028 Irhasi nomququ wamahashe, nowamahashe aziimbaleki, babeyizisa endaweni apho ibifanele ukuba khona, elowo njengokumiselwa kwakhe.

4:29b.1KI.004.029 UThixo wamnika ke uSolomon ubulumko nengqondo ngokuninzi kunene, nobubanzi bentliziyo, njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle.

4:30b.1KI.004.030 Ubulumko bukaSolomon bebubuninzi ngaphezu kobulumko boonyana bonke basempumalanga, naphezu kobulumko bonke bamaYiputa.

4:31b.1KI.004.031 Ubelumkile ngaphezu kwabantu bonke, ngaphezu koEtan umEzera, noHeman, noKalekole, noDarda, oonyana bakaMaholi. Igama lakhe belisezintlangeni zonke ngeenxa zonke.

4:32b.1KI.004.032 Wathetha amawaka amathathu emizekeliso; zathi neengoma zakhe zaliwaka elinantlanu.

4:33b.1KI.004.033 Wathetha ngemithi, ethabathela kumsedare waseLebhanon, ase nakwihisope ephuma eludongeni; wathetha nangeenkomo, nangeentaka, nangezinambuzane, nangeentlanzi.

4:34b.1KI.004.034 Baye bevela ezintlangeni zonke, besiza kuva ubulumko bukaSolomon bevela kookumkani bonke bomhlaba, ababebuvile ubulumko bakhe.

5

5:1b.1KI.005.001 Wathuma ke uHiram, ukumkani waseTire, abakhonzi bakhe kuSolomon; kuba ubevile ukuba uthanjisiwe ukuba abe ngukumkani, esikhundleni sikayise; ngokuba uHiram ubehleli emthanda uDavide yonke imihla.

5:2b.1KI.005.002 Wathumela uSolomon kuHiram, esithi,

5:3b.1KI.005.003 Uyazi wena ukuba uDavide ubawo ubengenako ukulakhela igama likaYehova uThixo wakhe indlu, ngenxa yeentshaba ezibe zimjikelezile, wada uYehova wazibeka ngaphantsi kweentende zeenyawo zakhe.

5:4b.1KI.005.004 Kaloku ke undiphumzile uYehova, uThixo wam, ngeenxa zonke; akukho lutshaba, akukho sihlo sibi.

5:5b.1KI.005.005 Uyabona, ndithi ndiza kulakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, njengoko wakuthethayo uYehova kuDavide ubawo, esithi, Unyana wakho, endiya kumbeka esikhundleni sakho etroneni yakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.

5:6b.1KI.005.006 Ngoko ke wisa umthetho, bandigawulele imisedare eLebhanon; abakhonzi bam babe nabakhonzi bakho; ndikunike umvuzo wabakhonzi bakho, njengako konke owokuthetha; ngokuba uyazi wena, ukuba kuthi apha akukho ndoda ikwaziyo ukugawula imithi njengamaTsidon.

5:7b.1KI.005.007 Kwathi, akuweva uHiram amazwi kaSolomon, wavuya kunene, wathi, Makabongwe uYehova namhla, omnikileyo uDavide unyana olumkileyo, wokubaphatha aba bantu baninzi kangaka.

5:8b.1KI.005.008 Wathumela uHiram kuSolomon, esithi, Ndikuvile oko undithumele khona; ndokwenza konke ukuthanda kwakho mna ngemisedare nangemisipres.

5:9b.1KI.005.009 Abakhonzi bam boyihlisa eLebhanon, bayise elwandle; ndiyihlanganise ndiyidadise elwandle, ndiyise kuloo ndawo wondimisela yona, ndiyikhulule khona, uyithabathe khona; ke wena wenze ukuthanda kwam, ngokuyinika ukudla indlu yam.

5:10b.1KI.005.010 Waye ke uHiram emnika uSolomon imisedare nemisipres ngangokuthanda kwakhe konke.

5:11b.1KI.005.011 USolomon wamnika uHiram amashumi amabini amawaka eekore zengqolowa, ukuba idle indlu yakhe; namashumi omabini eekore zeoli engqushiweyo; wenjenjalo ke uSolomon ukumnika uHiram iminyaka ngeminyaka.

5:12b.1KI.005.012 UYehova wamnika ubulumko uSolomon, njengoko wayekuthethile kuye; lwaba luxolo phakathi koHiram noSolomon: benza umnqophiso bobabini.

5:13b.1KI.005.013 Ukumkani uSolomon wahlahla abafakwa uviko kumaSirayeli onke; abo bafakwa uviko babengamashumi omathathu amawaka amadoda.

5:14b.1KI.005.014 Wabathuma eLebhanon, ishumi lamawaka ngenyanga, bekhululana; inyanga enye babe seLebhanon, iinyanga ezimbini babe sekhaya; ke uAdoniram ubephethe abo bafakwa uviko.

5:15b.1KI.005.015 USolomon ebenamashumi asixhenxe amawaka athwala imithwalo, namashumi osibhozo amawaka abeqingqa amatye ezintabeni;

5:16b.1KI.005.016 bebodwa abathetheli abangabongameli bakaSolomon, ababewuphethe umsebenzi, bengamawaka amathathu anamakhulu mathathu, ababenobukhosi ebantwini ababewusebenza loo msebenzi.

5:17b.1KI.005.017 Wawisa umthetho ukumkani, bemba amatye amakhulu, amatye anqabileyo, amatye aqingqiweyo okuseka indlu.

5:18b.1KI.005.018 Baqingqa ke abakhi bakaSolomon, nabakhi bakaHiram, nabaseGebhali, balungisa imithi namatye okuyakha indlu.

6

6:1b.1KI.006.001 Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omane anamanci asibhozo bephumile oonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngomnyaka wesine uSolomon engukumkani kumaSirayeli, ngenyanga enguZivi, eyinyanga yesibini, wamakhela uYehova indlu leyo.

6:2b.1KI.006.002 Loo ndlu ukumkani uSolomon wamakhelayo uYehova ibiziikubhite ezimashumi mathandathu ubude bayo, iziikubhite ezimashumi mabini ububanzi bayo, iziikubhite ezimashumi mathathu ukuphakama kwayo.

6:3b.1KI.006.003 Ivaranda, ebiphambi kwebhotwe lendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini ubude bayo bungangobubanzi bendlu; ibiziikubhite ezilishumi ububanzi bayo phambi kwendlu.

6:4b.1KI.006.004 Ke indlu wayenzela iifestile ezinamanqwanqwa athe nkqi.

6:5b.1KI.006.005 Wakha eludongeni lwendlu umayamo ngeenxa zonke; ezindongeni zendlu ngeenxa zonke, ezo zebhotwe nezendawo yezihlabo, wenza amagumbi emacaleni ngeenxa zonke;

6:6b.1KI.006.006 udidi oluphantsi beluziikubhite ezintlanu ububanzi balo; oluphakathi beluziikubhite ezintandathu ububanzi balo; olwesithathu beluziikubhite ezisixhenxe ububanzi balo; ngokuba wenza iingqameko endlwini ngaphandle, wajikelezisa, ukuze imiqadi ingafakwa ezindongeni zendlu.

6:7b.1KI.006.007 Indlu ekwakhiweni kwayo yakhiwa ngamatye aselegqityiwe ukulungiswa endaweni ambiwa kuyo; izando nezixholo, zonke iimpahla zesinyithi, azivakalanga kuloo ndlu ekwakhiweni kwayo.

6:8b.1KI.006.008 Umnyango wegumbi eliphakathi ubusecaleni lasekunene lendlu; kwenyukwa ngezinyuko ezizungulezayo ukuya kweloluphakathi udidi, nokusuka kulo kuyiwe kwelolwesithathu.

6:9b.1KI.006.009 Wayakha ke indlu, wayigqiba, wayifulela ngemiqadi neeplanga zemisedare.

6:10b.1KI.006.010 Wakha ke umayamo endlwini yonke, waziikubhite ezintlanu ukuphakama kwawo; wabambelela endlwini ngemisedare.

6:11b.1KI.006.011 Lafika ilizwi likaYehova kuSolomon, lisithi,

6:12b.1KI.006.012 Ngale ndlu uyakhayo wena, ukuba uthe wahamba ngemimiselo yam, wawenza amasiko am, wayigcina yonke imithetho ngokuhamba ngayo: ndolimisa kuwe ilizwi lam, endalithethayo kuDavide uyihlo;

6:13b.1KI.006.013 ndihlale phakathi koonyana bakaSirayeli, ndingabashiyi abantu bam amaSirayeli.

6:14b.1KI.006.014 Wayakha ke uSolomon indlu, wayigqiba.

6:15b.1KI.006.015 Wazakha iindonga zendlu ngaphakathi ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini yophahla; waleka ngemithi ngaphakathi, wawaleka umgangatho wendlu ngeeplanga zemisipres.

6:16b.1KI.006.016 Wakha iikubhite ezimashumi mabini, ethabathela emaphundwini endlu, ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini; wazakhela yona ngaphakathi indawo yezihlabo, ingcwele kangcwele.

6:17b.1KI.006.017 Yayingamashumi amane eekubhite indlu leyo ilibhotwe elingaphambili.

6:18b.1KI.006.018 Yayimisedare kule ndlu ngaphakathi, ilukrolo lwamathangazana neentyantyambo ezithe bhenqe; yangumsedare yonke; akwabonakala litye.

6:19b.1KI.006.019 Walungisa indawo yezihlabo endlwini ngaphakathi, ukuba ibekwe khona ityeya yomnqophiso kaYehova.

6:20b.1KI.006.020 Umphakathi wendawo yezihlabo ubuziikubhite ezimashumi mabini ubude bawo, uziikubhite ezimashumi mabini ububanzi bawo, uziikubhite ezimashumi mabini ukuphakama kwawo; wawaleka ngegolide ethe shinyi, wasaleka nesibingelelo ngomsedare.

6:21b.1KI.006.021 Wayaleka ke uSolomon indlu ngaphakathi ngegolide ethe shinyi, wavala ngemixokelelwane yegolide ngaphambi kwendawo yezihlabo, wasaleka ngegolide.

6:22b.1KI.006.022 Wayaleka ngegolide yonke ke indlu, wada wayigqiba yonke indlu; nesibingelelo sonke esibe sisendaweni yezihlabo wasaleka ngegolide.

6:23b.1KI.006.023 Endaweni yezihlabo wenza iikerubhi zambini ngeminquma yasendle: zalishumi leekubhite ukuphakama kwazo.

6:24b.1KI.006.024 Libe liziikubhite ezintlanu elinye iphiko lekerubhi, libe liziikubhite ezintlanu elesibini iphiko lekerubhi: zaba ziikubhite ezilishumi, zithabathela encamini yelinye iphiko layo, zise encamini yelinye iphiko layo.

6:25b.1KI.006.025 Ibiziikubhite ezilishumi neyesibini ikerubhi: ubumnye umlinganiso, kukunye ukubonakala kweekerubhi zombini.

6:26b.1KI.006.026 Ukuphakama kwenye ikerubhi bekuziikubhite ezilishumi, bekunjalo nakweyesibini ikerubhi.

6:27b.1KI.006.027 Wazibeka iikerubhi ezo ngaphakathi kwengaphakathi indlu; oluka amaphiko eekerubhi: lafikelela iphiko lenye eludongeni, lathi iphiko lekerubhi yesibini lafikelela kolunye udonga; aza amaphiko azo afikelelana esazulwini sendlu: elinye iphiko lafikelela kwelinye iphiko.

6:28b.1KI.006.028 Wazaleka iikerubhi ezo ngegolide.

6:29b.1KI.006.029 Wathi zonke iindonga zendlu ngeenxa zonke wazikrola imikrolo, zaba nemikrolo yeekerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, ngaphakathi nangaphandle.

6:30b.1KI.006.030 Umgangatho wendlu wawaleka ngegolide ngapha nangapha.

6:31b.1KI.006.031 Umnyango wendawo yezihlabo wawenzela iingcango ngeminquma; ulungqu lwemigubasi belusisahlulo sesihlanu sodonga.

6:32b.1KI.006.032 Iingcango zombini bezizezomnquma; wazikrola ngemikrolo yeekerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, wazaleka ngegolide; eyihambisa igolide phezu kweekerubhi namasundu.

6:33b.1KI.006.033 Wenjenje ukuwenzela umnyango webhotwe imigubasi ngeminquma, esisahlulo sesine sodonga.

6:34b.1KI.006.034 Iingcango zombini wazenza ngemisipres; amaphiko omabini olunye ucango aba ngajingayo, amaphiko omabini olwesibini ucango aba ngajingayo.

6:35b.1KI.006.035 Wakrola kuwo iikerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, waleka ngegolide, yagudiswa emikrolweni.

6:36b.1KI.006.036 Wakha intendelezo engaphakathi ngeengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nangeengcamba zemisedare echweliweyo.

6:37b.1KI.006.037 Yasekwa ngomnyaka wesine, ngenyanga enguZivi, indlu kaYehova;

6:38b.1KI.006.038 ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga enguBhuli, eyinyanga yesibhozo leyo, yagqitywa loo ndlu ezintweni zayo zonke, nasezimfanelekweni zayo zonke. Wayakha ngeminyaka esixhenxe.

7

7:1b.1KI.007.001 Eyakhe indlu uSolomon wayakha iminyaka elishumi elinamithathu, wayigqiba indlu yakhe yonke.

7:2b.1KI.007.002 Kuba wakha nendlu yehlathi laseLebhanon: yalikhulu leekubhite ubude bayo, yangamashumi amahlanu eekubhite ububanzi bayo, yangamashumi amathathu eekubhite ukuphakama kwayo, phezu kwemikrozo emine yeentsika zomsedare, ezinemiqadi echweliweyo yemisedare phezu kweentsika ezo.

7:3b.1KI.007.003 Yafulelwa ngemisedare phezulu, phezu kwamagumbi abe ephezu kweentsika ezingamashumi amane anantlanu; aba lishumi elinantlanu lukrozweni lunye.

7:4b.1KI.007.004 Imiqadi ibiyimikrozo emithathu, ikroba likhangelene nekroba kathathu.

7:5b.1KI.007.005 Zonke iingcango nemigubasi yayimbombo-ne, iyimithi; ikroba lilunge nekroba kathathu.

7:6b.1KI.007.006 Wenza ivaranda yeentsika: yaziikubhite ezimashumi mahlanu ubude bayo, neekubhite ezimashumi mathathu ububanzi bayo, zinevaranda engaphambi kwazo, neentsika nezinyuko phambi kwazo.

7:7b.1KI.007.007 Wenza nevaranda yetrone, apho abethetha khona amatyala, iyivaranda yamatyala, wayifulela ngemisedare, ethabathela komnye umgangatho wesa komnye umgangatho.

7:8b.1KI.007.008 Indlu yakhe abehlala kuyo, ekwenye intendelezo phakathi ngasevarandeni, yasetyenzwa kwangokunjalo. Wayenzela indlu intombi kaFaro, awayizekayo uSolomon, yanjengaloo varanda.

7:9b.1KI.007.009 Zonke ezo zinto bezizezamatye anqabileyo, aqingqwe ngokomlinganiso, asarhiweyo ngeesarha, ngaphakathi nangaphandle; ethabathela esisekweni esa elungqwini, ethabathela nangaphandle esa entendelezweni enkulu.

7:10b.1KI.007.010 Useko lwalungamatye anqabileyo, amatye amakhulu, amatye eekubhite ezilishumi, amatye eekubhite ezisibhozo.

7:11b.1KI.007.011 Ngaphezulu yabe ingamatye anqabileyo, aqingqwe ngokomlinganiso, nemisedare.

7:12b.1KI.007.012 Intendelezo enkulu ejikelezayo yayineengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nocamba lwemisedare echweliweyo; njengentendelezo engaphakathi yendlu kaYehova, nevaranda yendlu layo.

7:13b.1KI.007.013 Wathumela ukumkani uSolomon, wathabatha uHuram eTire.

7:14b.1KI.007.014 Yena ebengunyana womhlolokazi wesizwe sakwaNafetali, uyise ebengumTire, ingcibi yobhedu; wayezele bubulumko nayingqondo, nakukwazi ukwenza yonke imisebenzi yobhedu. Weza ke kukumkani, kuSolomon, wayenza yonke imisebenzi yakhe.

7:15b.1KI.007.015 Wayila iintsika zambini zobhedu: zalishumi elinesibhozo iikubhite ukuphakama kwentsika inye, nomtya oziikubhite ezilishumi elinambini ukuthandela intsika inye.

7:16b.1KI.007.016 Wenza iingqukuva zambini ngobhedu olutyhidiweyo, zokubekwa emantloko eentsika ezo: ukuphakama kwengqukuva enye kuziikubhite ezintlanu, ukuphakama kwengqukuva yesibini kuziikubhite ezintlanu.

7:17b.1KI.007.017 Wenza iminatha, umsebenzi onguphinyephinye, nezidanga, umsebenzi osontelwe ezingqukuveni, ezisemantloko eentsika ezo: yasixhenxe kwenye ingqukuva, yasixhenxe kweyesibini ingqukuva.

7:18b.1KI.007.018 Wenza ke iirharnate, imikrozo emibini yokuwujikeleza omnye umnatha, yokugubungela iingqukuva ezisemantloko eentsika, wenjenjalo nakweyesibini ingqukuva.

7:19b.1KI.007.019 Iingqukuva ezisemantloko eentsika ezo zibe zingumsebenzi oyinyibiba, ngokwevaranda, ziziikubhite ezine;

7:20b.1KI.007.020 iingqukuva ezisezintsikeni ezo zombini wazenza nangaphezulu, kufuphi nesisu esalekwe ngomnatha, neerharnate ezimakhulu mabini, zikrozile zajikeleza engqukuveni yesibini.

7:21b.1KI.007.021 Wazimisa iintsika evarandeni yetempile, wayimisa intsika yasekunene, wathi igama layo nguZinzisayo; wayimisa intsika yasekhohlo, wathi igama layo nguMandlakuye.

7:22b.1KI.007.022 Phezu kweentloko zeentsika ezo bekukho umsebenzi weenyibiba. Wagqitywa ke umsebenzi weentsika.

7:23b.1KI.007.023 Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi ukusuka kolunye udini lwalo, kuyiwe kolunye udini lwalo, luyinqila ngeenxa zonke, lwaziikubhite ezintlanu ukuphakama kwalo; kwajikeleza kulo umtya oziikubhite ezimashumi mathathu ngeenxa zonke.

7:24b.1KI.007.024 Ngaphantsi kodini lwalo ngeenxa zonke yangamathangazana alishumi kubhitini-nye, azunguleza ulwandle olo ngeenxa zonke; eyimikrozo emibini amathangazana, athyidwa nalo ekutyhidweni kwalo.

7:25b.1KI.007.025 Lwema phezu kweenkomo ezilishumi elinambini: ezintathu zibheke entla, ezintathu zibheke entshonalanga, ezintathu zibheke ezantsi, ezintathu zibheke empumalanga; ulwandle lubekwe kuzo ngaphezulu, imiva yazo zonke isinge phakathi.

7:26b.1KI.007.026 Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lulingene amawaka amabini eebhate.

7:27b.1KI.007.027 Wenza iingqwelwana zalishumi ngobhedu; baziikubhite ezine ubude benqwelwana inye, baziikubhite ezine ububanzi bayo, kwaziikubhite ezintathu ukuphakama kwayo.

7:28b.1KI.007.028 Kwakunje ukwenziwa kwenqwelwana: zazineepanele phakathi kwemiqhele;

7:29b.1KI.007.029 naphezu kweepanele eziphakathi kwemiqhele ibiziingonyama neenkomo neekerubhi; naphezu kwemiqhele bekukho useko ngaphezulu; ngaphantsi kweengonyama neenkomo bekukho izidanga, umsebenzi ojingayo.

7:30b.1KI.007.030 Inqwelwana inye yabe ineevili ezine zobhedu, neeasi zobhedu; iinyawo zazo zozine zazinamagxa; ngaphantsi kwezitya zokuhlambela ingamagxa lawo atyhidiweyo, ngaphaya kwelinye ibizizidanga.

7:31b.1KI.007.031 Umlomo wayo ubusesazulwini sesiciko, uyikubhite ukuphakama kwawo; umlomo wesiciko uyinqila, senziwe ngokwenziwa koseko; siyikubhite enesiqingatha sekubhite ububanzi; nasemlonyeni waso kwakukho imikrolo; iipanele zaso zazimbombo-ne, azaba zinqila.

7:32b.1KI.007.032 Ngaphantsi kweepanele yabe iziivili ezine, iiasi zeevili ezo bezimi enqwelwaneni; ukuphakama kwevili kwakuyikubhite nesiqingatha sekubhite.

7:33b.1KI.007.033 Ukwenziwa kweevili bekunjengokwenziwa kweevili zeenqwelo zonke; iiasi zazo, neefeleni zazo, nezipeki zazo, neenafu zazo, zibe zityhidiwe zonke.

7:34b.1KI.007.034 Amagxa omane abesezimbombeni zone zenqwelwana, emilile enqwelwaneni amagxa lawo.

7:35b.1KI.007.035 Emphezulwini wenqwelwana kwakukho inqila ngeenxa zonke; ukuphakama kwawo kusisiqingatha sekubhite; phezu komphezulu wenqwelwana kwaphuma izinto zokubamba neepanele.

7:36b.1KI.007.036 Emacebeni azo okubamba, nasezipaneleni zawo, wakrola iikerubhi neengonyama namasundu, ngangebala lalo elinye, nezidanga ngeenxa zonke.

7:37b.1KI.007.037 Wenjenjalo ukuzenza iinqwelwana ezilishumi: waba mnye umtyhido, waba mnye umlinganiso, kwaba kunye ukubonakala kwazo zonke.

7:38b.1KI.007.038 Wenza ke izitya zokuhlambela zalishumi ngobhedu; sisinye isitya sokuhlambela salingana amashumi amane eebhate: sisinye isitya sokuhlambela siziikubhite ezine; sasisitya sokuhlambela enqwelwaneni kuzo zoshumi.

7:39b.1KI.007.039 Wabeka iinqwelwana zantlanu ngecala lokunene layo indlu, wabeka zantlanu ngecala lasekhohlo layo indlu; walubeka ulwandle ngecala lokunene layo indlu, lwabheka empumalanga malunga ezantsi.

7:40b.1KI.007.040 UHuram wazenza nezitya zokuhlambela, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza. UHuram wagqiba ke ukuwenza wonke umsebenzi abewenzela ukumkani uSolomon, wendlu kaYehova:

7:41b.1KI.007.041 iintsika zombini, neembumba zeengqukuva ebezisemantloko eentsika ezo zombini, neminatha yomibini yokuzunguleza iimbumba zombini zeengqukuva ebezisemantloko eentsika;

7:42b.1KI.007.042 neerharnate ezimakhulu mane zeminatha yomibini: imikrozo emibini yeerharnate kumnatha umnye yokuzunguleza iimbumba ezimbini zeengqukuva, ezibe zisezintsikeni;

7:43b.1KI.007.043 neenqwelwana ezilishumi, nezitya zokuhlambela ezilishumi ezinqwelwaneni;

7:44b.1KI.007.044 nolwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini ngaphantsi kolwandle olo;

7:45b.1KI.007.045 neembiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neempahla zonke. Zizo ezo izinto uHuram awazenzela ukumkani uSolomon, zendlu kaYehova; bezizezo bhedu olubengezelayo.

7:46b.1KI.007.046 Ukumkani wazityhidela emmandleni weYordan, emhlabeni oludongwe, phakathi kweSukoti neTsaretan.

7:47b.1KI.007.047 Waziyeka uSolomon zonke iimpahla zingalinganiswanga, ngokuba bezizininzi kakhulu kunene; abafumaneka ubunzima bobhedu olo.

7:48b.1KI.007.048 Wazenza ke uSolomon zonke iimpahla zendlu kaYehova: isibingelelo segolide, netafile yegolide ebezikuyo izonka zokubonisa;

7:49b.1KI.007.049 neziphatho zezibane zegolide ethe shinyi: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, phambi kwendawo yezihlabo; neentyantyambo, nezibane, nezifinyiso zegolide,

7:50b.1KI.007.050 nezitya, nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neengcedevu zegolide ethe shinyi, neehinjizi zegolide zeengcango zendlu engaphakathi, eyingcwele kangcwele, nezeengcango zendlu elibhotwe.

7:51b.1KI.007.051 Wagqitywa ke wonke umsebenzi, abewenzela indlu kaYehova ukumkani uSolomon. Wazingenisa uSolomon zonke Izinto, abezingcwalisile uDavide uyise, isilivere negolide, wazibeka iimpahla ezo endaweni yobuncwane bendlu kaYehova.

8

8:1b.1KI.008.001 Waza uSolomon wawabizela ndawonye amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezizwe, izikhulu zezindlu zooyise zoonyana bakaSirayeli, kukumkani uSolomon eYerusalem, ukuba bayinyuse ityeya yomnqophiso kaYehova, iphume emzini kaDavide: yiZiyon ke leyo.

8:2b.1KI.008.002 Abizelwa ndawonye kukumkani uSolomon onke amadoda akwaSirayeli emthendelekweni ngenyanga enguEtanim: yinyanga yesixhenxe ke leyo.

8:3b.1KI.008.003 Eza ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli; bayithwala ababingeleli ityeya leyo.

8:4b.1KI.008.004 Benyuka nayo ityeya kaYehova, nentente yokuhlangana, neempahla zonke zengcwele ezibe zisententeni; benyuka nazo ababingeleli nabaLevi.

8:5b.1KI.008.005 Ke ukumkani uSolomon nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselene kuye, linaye phambi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba zininzi kwazo.

8:6b.1KI.008.006 Bayingenisa ababingeleli ityeya yomnqophiso kaYehova endaweni yayo, endaweni yezihlabo endlwini, engcweleni kangcwele, phantsi kwamaphiko eekerubhi.

8:7b.1KI.008.007 Ngokuba iikerubhi zaye ziwolulele amaphiko phezu kwendawo yetyeya, iikerubhi zayisithelisa ityeya nezibonda zayo ngaphezulu.

8:8b.1KI.008.008 Zazizide izibonda, zibonakala iincam zezibonda engcweleni phambi kwendawo yezihlabo, azabonakala ngaphandle; zisekhona unanamhla.

8:9b.1KI.008.009 Kwakungekho nto etyeyeni, yayingamacwecwe amabini amatye kuphela, awawabeka khona uMoses eHorebhe, oko uYehova wanqophisana noonyana bakaSirayeli, ekuphumeni kwabo ezweni laseYiputa.

8:10b.1KI.008.010 Kwathi, ekuphumeni kwababingeleli engcweleni, lasuka ilifu layizalisa indlu kaYehova.

8:11b.1KI.008.011 Ababingeleli ababa nakuma balungiselele ngenxa yelifu; ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaYehova.

8:12b.1KI.008.012 Waza wathi uSolomon, UYehova wathi, uya kuhlala esithokothokweni.

8:13b.1KI.008.013 Ukukwakhela, ndikwakhele indlu, ukuba ibe yeyokuhlala wena, indawo yokuhlala wena ngonaphakade.

8:14b.1KI.008.014 Wee guququ ukumkani walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli (laye ke limi lonke ibandla lakwaSirayeli).

8:15b.1KI.008.015 Wathi yena, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, owathetha ngomlomo wakhe kuDavide ubawo, wakuzalisa ngesandla sakhe, esithi,

8:16b.1KI.008.016 Kususela kwimini yokubakhupha kwam abantu bam amaSirayeli eYiputa, andinyulanga mzi ezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba libe khona igama lam; ndanyula uDavide ukuba abe phezu kwabantu bam amaSirayeli.

8:17b.1KI.008.017 Kwaye kukho entliziyweni kaDavide ubawo ukuthi alakhele indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli.

8:18b.1KI.008.018 Wathi uYehova kuDavide ubawo, Ngenxa enokuba kwakukho entliziyweni yakho ukuthi ulakhele indlu igama lam, walungisa ngokuthi kubekho oko entliziyweni yakho;

8:19b.1KI.008.019 noko ke akusayi kuyakha indlu wena: unyana wakho ophuma esinqeni sakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.

8:20b.1KI.008.020 Ulimisile ke uYehova ilizwi lakhe awalithethayo; ndivelile endaweni kaDavide ubawo, ndahlala etroneni yakwaSirayeli, njengoko wakuthethayo uYehova; ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli.

8:21b.1KI.008.021 Ndayimisela khona indawo yetyeya, apho ukhona umnqophiso kaYehova, awawenzayo nobawo bethu ekubakhupheni kwakhe ezweni laseYiputa.

8:22b.1KI.008.022 Wema ke uSolomon phambi kwesibingelelo sikaYehova, ebusweni bebandla lonke lamaSirayeli, wazolulela ezulwini izandla zakhe.

8:23b.1KI.008.023 Wathi: Yehova Thixo kaSirayeli, akukho unjengawe, ezulwini phezulu nasemhlabeni phantsi, ubagcinelayo umnqophiso nenceba abakhonzi bakho abahamba phambi kwakho ngentliziyo yabo yonke;

8:24b.1KI.008.024 umgcineleyo umkhonzi wakho uDavide ubawo oko wakuthethayo kuye; wakuthetha ngomlomo wakho, wakuzalisa ngesandla sakho, njengoko kunjalo namhla.

8:25b.1KI.008.025 Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, mgcinele umkhonzi wakho uDavide ubawo oko wakuthethayo kuye, usithi, Ebusweni bam akuyi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yakwaSirayeli; ukuba kodwa bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, bahamba phambi kwam, njengoko uhambe phambi kwam wena.

8:26b.1KI.008.026 Kaloku, Thixo kaSirayeli, makanyaniseke amazwi akho, owawathethayo kumkhonzi wakho uDavide ubawo.

8:27b.1KI.008.027 Gxebe uThixo angade ahlale emhlabeni na? Yabona, amazulu, amazulu awo amazulu, akakulingene; hina ke, yona le ndlu ndiyakhileyo!

8:28b.1KI.008.028 Noko ke kunonelele ukuthandaza komkhonzi wakho, nokutarhuzisa kwakhe, Yehova Thixo wam, ukuphulaphule ukumemelela nokuthandaza, athandaza ngako umkhonzi wakho phambi kwakho namhla;

8:29b.1KI.008.029 ukuba amehlo akho akhangele kule ndlu ubusuku nemini, kwindawo othe, Liya kuba kuyo igama lam; uphulaphule umthandazo athandaza ngawo umkhonzi wakho kule ndawo.

8:30b.1KI.008.030 Phulaphula ukutarhuzisa komkhonzi wakho, nabantu bakho amaSirayeli, abaya kuthandaza ngako kule ndawo; uve ke wena endaweni ohlala kuyo emazulwini; uve ke uxolele.

8:31b.1KI.008.031 Xa athe umntu wona ummelwane wakhe, wathwaliswa isifungo, wafungiswa, weza wafunga phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu:

8:32b.1KI.008.032 yiva ke wena emazulwini, wenze, ugwebe kubakhonzi bakho; umgwebe ongendawo, uyibeke indlela yakhe phezu kwentloko yakhe; umgwebele olilungisa, umnike ngokobulungisa bakhe.

8:33b.1KI.008.033 Xa bathe abantu bakho, amaSirayeli, boyiswa ziintshaba zabo, kuba bekonile, baza babuyela kuwe, balivuma igama lakho, bathandaza batarhuzisa kuwe bekule ndlu:

8:34b.1KI.008.034 yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, ubabuyisele emhlabeni owawunika ooyise.

8:35b.1KI.008.035 Xa lithe izulu lavalwa, akwabakho mvula, kuba bekonile, baza bathandaza bekule ndawo, balivuma igama lakho, babuya esonweni sabo, ngokuba ubacinezele:

8:36b.1KI.008.036 yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabakhonzi bakho, abantu bakho amaSirayeli, ngokuba ubafundisa indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo, unise imvula ezweni lakho, olinike abantu bakho ukuba libe lilifa.

8:37b.1KI.008.037 Xa kuthe kwakho indlala elizweni, xa kuthe kwakho indyikitya yokufa, xa kuthe kwakho imbabala, nexoshomba, neenkumbi ezinqunquthayo; xa zithe iintshaba zabangqinga elizweni, emizini yabo; nokuba sisiphi isibetho, nokuba sisiphi isifo esithe sakho:

8:38b.1KI.008.038 ukuthandaza, nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe besazi elowo isibetho sentliziyo yakhe, bazolulela kule ndlu izandla zabo:

8:39b.1KI.008.039 yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele; wenze, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana bonke babantu);

8:40b.1KI.008.040 ukuze bakoyike yonke imihla abahleli ngayo emhlabeni owawunika oobawo.

8:41b.1KI.008.041 Kananjalo owolunye uhlanga, ongengowabantu bakho amaSirayeli, xa athe wavela ezweni elikude ngenxa yegama lakho

8:42b.1KI.008.042 (ngokuba baya kuliva igama lakho elikhulu, nesandla sakho esithe nkqi, nengalo yakho eyolukileyo); weza ke lowo, wathandaza ekule ndlu:

8:43b.1KI.008.043 yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, wenze ngako konke athe wakunqula owolunye uhlanga, ukuze zonke izizwe zomhlaba zilazi igama lakho, zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli, zazi ukuba ibizwe ngegama lakho le ndlu ndiyakhileyo.

8:44b.1KI.008.044 Xa bathe abantu bakho baphuma, baya kulwa notshaba lwabo, ngendlela obathume ngayo, bathandaza kuYehova, bebhekisa kulo mzi uwunyulileyo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho:

8:45b.1KI.008.045 yiva ke emazulwini ukuthandaza kwabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele.

8:46b.1KI.008.046 Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babasa ezweni lotshaba olo, nokuba likude nokuba likufuphi;

8:47b.1KI.008.047 baza bakunyamekela oko ngentliziyo kwelo zwe bathinjelwe kulo, babuya, batarhuzisa kuwe ezweni lababathimbileyo, besithi, Sonile, senza ubugwenxa, senza okungendawo;

8:48b.1KI.008.048 babuyela kuwe ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, bekwelo zwe leentshaba zabo ezibathimbileyo, bathandaza kuwe, bebhekisa elizweni labo owalinika ooyise, kulo mzi uwunyulileyo, kule ndlu ndiyakhele igama lakho:

8:49b.1KI.008.049 yiva ke emazulwini, endaweni ohlala kuyo, ukuthandaza kwabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele,

8:50b.1KI.008.050 ubaxolele abantu bakho ngoko kona, nokukreqa kwabo konke abakreqe ngako kuwe, ubenzele imfesane phambi kwababathimbileyo, basikwe bona yimfesane ngabo.

8:51b.1KI.008.051 Ngokuba ngabantu bakho, nelifa lakho, owabakhuphayo eYiputa ezikweni lesinyiti;

8:52b.1KI.008.052 ukuba amehlo akho akhangele ekutarhuziseni komkhonzi wakho, nasekutarhuziseni kwabantu bakho amaSirayeli, ukuba ubeve ekukunquleni kwabo konke.

8:53b.1KI.008.053 Ngokuba wabahlula wena ezizweni zonke zomhlaba, ukuba babe lilifa lakho, njengoko wakuthetha ngoMoses umkhonzi wakho, ekubakhupheni kwakho oobawo eYiputa, Nkosi Yehova.

8:54b.1KI.008.054 Kwathi xa agqibileyo ukuthandaza uSolomon kuYehova konke oko kuthandaza nokutarhuzisa, wesuka phambi kwesibingelelo sikaYehova ekuguqeni ngamadolo akhe, ezolulele ezulwini izandla zakhe.

8:55b.1KI.008.055 Wema, walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli ngezwi elikhulu, wathi,

8:56b.1KI.008.056 Makabongwe uYehova, obanike ukuphumla abantu bakhe amaSirayeli, njengoko konke wakuthethayo; akwaphalala nalinye ilizwi kuwo onke amazwi akhe alungileyo, awawathethayo ngoMoses umkhonzi wakhe.

8:57b.1KI.008.057 UYehova uThixo wethu makabenathi, njengokuba wayenoobawo bethu; angasishiyi, angasilahli;

8:58b.1KI.008.058 ukuze ayithobele kuye intliziyo yethu, sihambe ngeendlela zakhe zonke, sigcine imithetho yakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, njengoko abebawisele umthetho ngako oobawo.

8:59b.1KI.008.059 Makathi nala mazwi am, nditarhuzisileyo ngawo phambi koYehova, asondele kuYehova uThixo wethu, imini nobusuku, ukuba amgwebele umkhonzi wakhe, abagwebele abantu bakhe amaSirayeli, into yemini ngemini yayo;

8:60b.1KI.008.060 ukuze zazi zonke izizwe zomhlaba, ukuba uYehova nguye uThixo, akukho wumbi.

8:61b.1KI.008.061 Mayiphelele intliziyo yenu kuYehova uThixo wethu, ukuba nihambe ngemimiselo yakhe, niyigcine imithetho yakhe, njengoko kunjalo namhla.

8:62b.1KI.008.062 Waye ke ukumkani, namaSirayeli onke kunye naye, ebingelela imibingelelo phambi koYehova.

8:63b.1KI.008.063 Wabingelela ke uSolomon imibingelelo yokubulela, awayibingelelayo kuYehova; amashumi amabini anesibini amawaka eenkomo, ikhulu elinamanci amabini lamawaka empalula emfutshane. Bayisungula ke indlu kaYehova, ukumkani lowo noonyana bonke bakaSirayeli.

8:64b.1KI.008.064 Ngaloo mini ukumkani wawungcwalisa umphakathi wentendelezo ephambi kwendlu kaYehova. Ngokuba wenza khona idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, namanqatha emibingelelo yokubulela; kuba isibingelelo sobhedu esiphambi koYehova besisincinane, singenakulamkela idini lonke elinyukayo, nomnikelo wokudla, namanqatha emibingelelo yokubulela.

8:65b.1KI.008.065 Ngelo xesha uSolomon wenza umthendeleko, enamaSirayeli onke, ibandla elikhulu, elithabathele ekungeneni kweHamati, lesa emlanjeni waseYiputa, phambi koYehova uThixo wethu, iintsuku ezisixhenxe neentsuku ezisixhenxe, zaziintsuku ezilishumi elinesine.

8:66b.1KI.008.066 Ngosuku lwesibhozo wabandulula abantu. Bambonga ukumkani, baya ke ezintenteni zabo, bevuya, bechwayithile ngenxa yokulunga konke awakwenzayo uYehova kuDavide umkhonzi wakhe, nakumaSirayeli abantu bakhe.

9

9:1b.1KI.009.001 Kwathi, akugqiba uSolomon ukuyakha indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nako konke abekulangazelele uSolomon, abenqwenela ukwenza kona,

9:2b.1KI.009.002 wabonakala uYehova kuSolomon okwesibini, njengoko wayebonakele kuye eGibheyon.

9:3b.1KI.009.003 Wathi uYehova kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho nokutarhuzisa kwakho otarhuzise ngako phambi kwam. Ndiyingcwalisile ke le ndlu uyakhileyo, ukuba libekwe khona igama lam kude kuse ephakadeni; aya kuba khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.

9:4b.1KI.009.004 Wena ke, ukuba uthe wahamba phambi kwam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ngentliziyo egqibeleleyo, nangokuthe tye, ukuba ukwenze konke endikumisileyo, ugcine imimiselo yam namasiko am:

9:5b.1KI.009.005 ndoyimisa itrone yobukumkani bakho phezu kwamaSirayeli ngonaphakade, njengoko ndakuthethayo kuDavide uyihlo, ndisithi, Akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaSirayeli.

9:6b.1KI.009.006 Ukuba ke nithe nabuya nabuya ekundilandeleni, nina noonyana benu, anayigcina imithetho yam nemimiselo yam, endiyibeke phambi kwenu, naya nakhonza thixo bambi, naqubuda kubo:

9:7b.1KI.009.007 ndowanqamla amaSirayeli emhlabeni endiwanikileyo; nale ndlu, ndiyingcwalisele igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, amaSirayeli abe ngumzekeliso nento yentsini ezizweni zonke.

9:8b.1KI.009.008 Nale ndlu noko iphezulu nje, bomangaliswa benze umsondlo bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu?

9:9b.1KI.009.009 Bathi ke, Kungenxa yokuba bamshiyayo uYehova uThixo wabo, owakhupha ooyise ezweni lamaYiputa; babambelela thixweni bambi, babanqula, babakhonza; kungenxa yoko abuzisileyo bonke obu bubi phezu kwabo uYehova.

9:10b.1KI.009.010 Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, awazakha ngayo uSolomon izindlu zombini, indlu kaYehova nendlu kakumkani

9:11b.1KI.009.011 (uHiram ukumkani waseTire ebemncedile uSolomon ngemisedare nangemisipres, nangegolide, ngangoko abekunqwenele), ukumkani uSolomon wamnika uHiram amashumi amabini emizi ezweni leGalili.

9:12b.1KI.009.012 Waphuma uHiram eTire, eya kuyibona imizi uSolomon abemnike yona: ayalunga emehlweni akhe.

9:13b.1KI.009.013 Wathi, Yimizi mini na le undinikileyo, mzalwana wam? Wathi, Lilizwe laseKabhuli unanamhla.

9:14b.1KI.009.014 UHiram wayethumele kukumkani ikhulu elinamanci mabini eetalente zegolide.

9:15b.1KI.009.015 Siso esi isizathu sokufakwa uviko awasimisayo ukumkani uSolomon, ukuba akhe indlu kaYehova, nendlu yakhe, neMilo, nodonga lweYerusalem, neHatsore, neMegido, neGezere.

9:16b.1KI.009.016 Kwakunyuke uFaro ukumkani waseYiputa, wayithimba iGezere, wayitshisa ngomlilo, wawabulala amaKanan abehleli kuloo mzi, wayinika intombi yakhe, umkaSolomon, yaba yinqakwe.

9:17b.1KI.009.017 USolomon wayakha ke iGezere, neBhete-horon yasezantsi;

9:18b.1KI.009.018 neBhahalati, neTademore esentlango kwelo zwe;

9:19b.1KI.009.019 nemizi engoovimba abenayo uSolomon, nemizi yeenqwelo, nemizi yabamahashe, nokulangazelela kukaSolomon awakulangazelelayo ukwakha eYerusalem, naseLebhanon, nasezweni lonke lolawulo lwakhe.

9:20b.1KI.009.020 Bonke abantu abaseleyo kuma-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ababengengabo abakoonyana bakaSirayeli,

9:21b.1KI.009.021 oonyana babo abasala emva kwabo ezweni, ababengenako oonyana bakaSirayeli ukubasingela phantsi, wabahlahla uSolomon, ukuba babe ngamakhoboka afakwa uviko unanamhla.

9:22b.1KI.009.022 Ke koonyana bakaSirayeli uSolomon akenzanga khoboka; kuba bona baba ngamadoda akhe okulwa, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nabaphathi-mikhosi bakhe, nabathetheli beenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.

9:23b.1KI.009.023 Abo bathetheli babengabongameli abaphezu komsebenzi kaSolomon; babengamakhulu amahlanu anamanci mahlanu, ababenobukhosi ebantwini abenza loo msebenzi.

9:24b.1KI.009.024 Yathi yakuthi ukunyuka intombi kaFaro, iphuma emzini kaDavide, isiza endlwini yayo abeyakhele, waqala wayakha iMilo.

9:25b.1KI.009.025 USolomon ubenyusa kathathu ngomnyaka amadini anyukayo, nemibingelelo yokubulela, esibingelelweni abesakhele uYehova, aqhumisele kweso siphambi koYehova. Wayigqiba indlu.

9:26b.1KI.009.026 Ukumkani uSolomon wenza isinqanawa e-Etsiyon-gebhere, ese-Eloti, elunxwemeni loLwandle oluBomvu, ezweni lakwaEdom.

9:27b.1KI.009.027 UHiram wathuma ke ngesinqanawa eso abakhonzi bakhe, amadoda eenqanawa, alwaziyo ulwandle, ndawonye nabakhonzi bakaSolomon.

9:28b.1KI.009.028 Baya kwaOfire, bathabatha khona igolide, amakhulu amane anamanci mabini eetalente, bazisa kukumkani uSolomon.

10

10:1b.1KI.010.001 Ke kaloku ukumkanikazi waseShebha waluva udaba lukaSolomon, olusingisele kwigama likaYehova, weza ukumlinga ngemibuzo elukhuni.

10:2b.1KI.010.002 Wafika eYerusalem enesihlwele esinzima kunene, esineenkamela ezithwele ubulawu, negolide eninzi kunene, namatye anqabileyo. Weza kuSolomon, wathetha naye konke okube kusentliziyweni yakhe.

10:3b.1KI.010.003 USolomon wamtyhilela onke amazwi akhe; akubangakho lizwi lifihlakeleyo kukumkani, angabanga nakumtyhilela lona.

10:4b.1KI.010.004 Wabubona ukumkanikazi waseShebha bonke ubulumko bukaSolomon, nendlu abeyakhile,

10:5b.1KI.010.005 nokudla kwetafile yakhe, nokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe, nezambatho zabo, nabangcamli bakhe, nezinyuko zakhe abenyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.

10:6b.1KI.010.006 Wathi kukumkani, Libe liyinene ilizwi endaliva, ezweni lam, lezinto zakho nobulumko bakho.

10:7b.1KI.010.007 Andikholwanga ngamazwi lawo, ndada ndeza, abona amehlo am; uyabona, bendingaxelelwanga nesiqingatha esi. Ulugqithile ngobulumko nangokulunga udada ebendiluvile.

10:8b.1KI.010.008 Anoyolo amadoda akho, banoyolo aba bakhonzi bakho bemiyo phambi kwakho amaxesha onke, bebuva ubulumko bakho.

10:9b.1KI.010.009 Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleleyo, wakubeka etroneni yakwaSirayeli ngokuwathanda kwakhe amaSirayeli ngonaphakade, wakumisa waba ngukumkani, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.

10:10b.1KI.010.010 Ukumkanikazi wamnika ukumkani ikhulu elinamanci amabini eetalente zegolide, nasebulawini into eninzi kunene, namatye anqabileyo; akuzanga kube saziswa bulawu bungangobo ukuba buninzi kwabo, obo ukumkanikazi waseShebha wabunika ukumkani uSolomon.

10:11b.1KI.010.011 Kananjalo isinqanawa sikaHiram, esathutha igolide kwaOfire, savela kwaOfire nemialmugi emininzi kunene, namatye anqabileyo.

10:12b.1KI.010.012 Imialmugi leyo ukumkani wayenza iintsika zendlu kaYehova, nezeyendlu yokumkani, neehadi nemirhubhe yeemvumi; akuzanga kube saziswa mialmugi injalo, akubonwanga injalo unanamhla.

10:13b.1KI.010.013 Ke ukumkani uSolomon wamnika ukumkanikazi waseShebha konke akunanzileyo, awakucelayo; kukodwa khona awamnikayo ngokwamandla okuba engukumkani uSolomon. Wajika ke, waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.

10:14b.1KI.010.014 Ke kaloku ukulinganiswa kwegolide, eyeza kuSolomon ngamnyaka mnye, kwaba ngamakhulu mathandathu anamanci mathandathu anesithandathu iitalente zegolide.

10:15b.1KI.010.015 Iyodwa eyabarhwebi, neyentengiso yabathengisi, neyookumkani bonke bomxukuxela, neyamabamba elizwe.

10:16b.1KI.010.016 Ukumkani uSolomon wenza amakhulu amabini amakhaka egolide engumkhando: zangamakhulu amathandathu iishekele zegolide, awaleka ngazo khaka linye.

10:17b.1KI.010.017 Wenza amakhulu amathathu eengweletshetshe zegolide engumkhando; zaba ntathu iimina zegolide, awaleka ngazo ngweletshetshe-nye. Ukumkani wazibeka endlwini yehlathi laseLebhanon.

10:18b.1KI.010.018 Ukumkani wenza itrone enkulu ngeempondo zeendlovu, wayaleka ngegolide engcwengiweyo.

10:19b.1KI.010.019 Itrone leyo ibinezinyuko ezithandathu; itrone leyo ibinomphezulu oyinqila ngasemva. Kukho iingalo ngapha nangapha kwendawo yokuhlala; kumi iingonyama ezimbini ecaleni leengalo ezo.

10:20b.1KI.010.020 Kumi iingonyama ezilishumi elinambini khona ezinyukweni ezithandathu, ngapha nangapha; akuzanga kwenziwe nto injalo ezikumkanini zonke.

10:21b.1KI.010.021 Yonke impahla yokusela yokumkani uSolomon yabe iyeyegolide, nempahla yonke yendlu yehlathi laseLebhanon yabe iyeyegolide ecikizekileyo; bekungekho yasilivere; ibingento yakonto yona ngemihla kaSolomon.

10:22b.1KI.010.022 Ngokuba ukumkani ubenesinqanawa saseTarshishe elwandle, ndawonye nesinqanawa sikaHiram; seza kanye ngeminyaka emithathu isinqanawa eso saseTarshishe, sithwele igolide, nesilivere, neempondo zeendlovu, neentsimango, neepikoko.

10:23b.1KI.010.023 Waba mkhulu ke ukumkani uSolomon, ngaphezu kookumkani bonke behlabathi, ngobutyebi nangobulumko.

10:24b.1KI.010.024 Lonke ihlabathi laye lifuna ubuso bukaSolomon, ukuba live ubulumko bakhe, awayebubeke entliziyweni yakhe uThixo.

10:25b.1KI.010.025 Bazisa elowo umnikelo wakhe; iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, nezambatho, nezikrweqe, nobulawu, namahashe, noondlebende, into yeminyaka ngeminyaka.

10:26b.1KI.010.026 USolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa namahashe akhwelwayo, waba newaka elinamakhulu amane eenqwelo zokulwa, namawaka alishumi elinamabini amahashe akhwelwayo; wazibeka ezo zinto emizini yeenqwelo zokulwa, nakukumkani eYerusalem.

10:27b.1KI.010.027 Ukumkani wayenza isilivere yanjengamatye eYerusalem, nemisedare wayenza yanjengemithombe esesihlanjeni, ukuba mininzi.

10:28b.1KI.010.028 Amahashe abenawo uSolomon avela eYiputa; laza iqela labathengela ukumkani lalithabatha iqela ngalinye ngenani elithile.

10:29b.1KI.010.029 Kwenyuka kwaphuma inqwelo yokulwa eYiputa ngamakhulu amathandathu eeshekele zesilivere, nehashe ngekhulu elinamanci mahlanu; benjenjalo bona ngokwabo ukubathuthela ookumkani bonke bamaHeti, nookumkani bama-Aram.

11

11:1b.1KI.011.001 Ke kaloku ukumkani uSolomon wathanda abafazi abaninzi bezinye iintlanga, ndawonye nentombi kaFaro: amaMowabhikazi, nama-Amonikazi, namaEdomikazi, namaTsidonikazi, namaHetikazi;

11:2b.1KI.011.002 ezintlangeni, abethe uYehova koonyana bakaSirayeli, Ize ningangeni kuzo, nazo zingangeni kuni; inene, zozitsalela koothixo bazo iintliziyo zenu. Wanamathela kubo abo uSolomon ngothando.

11:3b.1KI.011.003 Wayenabafazi abamakhulu asixhenxe, amakhosikazi; namakhulu amathathu amashweshwe; abafazi bakhe bayityekisa ke intliziyo yakhe.

11:4b.1KI.011.004 Kwathi, ngexesha lobudala bukaSolomon, abafazi bakhe bayityekisela intliziyo yakhe ekulandeleni thixo bambi; intliziyo yakhe ayaphelela kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise.

11:5b.1KI.011.005 USolomon walandela uAshtoreti, uthixo wamaTsidon; walandela uMoleki, izothe lama-Amon.

11:6b.1KI.011.006 Wenza okubi emehlweni kaYehova; akamlandela uYehova ngokukholisekileyo, njengoDavide uyise.

11:7b.1KI.011.007 Waza uSolomon wamakhela isiganga uKemoshe, izothe lamaMowabhi, entabeni ekhangelene neYerusalem, noMoleki, izothe loonyana baka-Amon.

11:8b.1KI.011.008 Wabenjela njalo bonke abafazi bakhe bezinye iintlanga, ababeqhumisela bebingelela koothixo babo.

11:9b.1KI.011.009 UYehova ke waba nomsindo kuSolomon, ngokuba ibityekile intliziyo yakhe, yemka kuYehova uThixo kaSirayeli, owayebonakele kuye izihlandlo ezibini;

11:10b.1KI.011.010 emwisele umthetho ngaloo nto, ukuba angalandeli thixo bambi; akawugcina umthetho abemwisele wona uYehova.

11:11b.1KI.011.011 Wathi ke uYehova kuSolomon, Ngenxa enokuba unaloo nto, akwawugcina umnqophiso wam, nemimiselo yam endikumiseleyo, okwenene, ndiya kubukrazula ubukumkani kuwe, ndibunike umkhonzi wakho.

11:12b.1KI.011.012 Kodwa ke andiyi kukwenza oko ngemihla yakho, ngenxa kaDavide uyihlo; ndiya kubukrazula esandleni sonyana wakho.

11:13b.1KI.011.013 Kodwa andiyi kubukrazula bonke ubukumkani; ndomnika isizwe esinye unyana wakho, ngenxa kaDavide umkhonzi wam, nangenxa yeYerusalem endiyinyulileyo.

11:14b.1KI.011.014 Ke uYehova wamvelisela uSolomon utshaba olunguHadade umEdom; yena ubengowembewu yokumkani kwaEdom.

11:15b.1KI.011.015 Kwakuthe, oko uDavide ebekwaEdom, ekunyukeni kukaYowabhi umthetheli-mkhosi eye kungcwaba abahlatyiweyo, waxabela yonke into engamadoda kwaEdom

11:16b.1KI.011.016 (ngokuba wahlala iinyanga zantandathu khona uYowabhi namaSirayeli onke, wada wayinqumla yonke into engamadoda kwaEdom);

11:17b.1KI.011.017 wabaleka uHadade, yena namaEdom akubakhonzi boyise kunye naye, baya eYiputa; ke uHadade waye eyinkwenkwana oko.

11:18b.1KI.011.018 Besuka kwaMidiyan, beza eParan; bathabatha amadoda eParan, ahamba nabo; beza eYiputa kuFaro, ukumkani waseYiputa. Yena ke wamnika indlu, wathi makazuze ukudla, wamnika ilizwe.

11:19b.1KI.011.019 UHadade wababalwa kakhulu nguFaro; wamnika umfazi, umsakwabo bomkakhe, umsakwabo boTapenes inkosikazi.

11:20b.1KI.011.020 Ke umsakwabo boTapenes wamzalela uGenubhati, unyana wakhe; uTapenes wamlumlela endlwini kaFaro, uGenubhati waba ngowendlu kaFaro phakathi koonyana bakaFaro.

11:21b.1KI.011.021 UHadade eseYiputa, weva ukuba uDavide ulele kooyise, ufile noYowabhi umthetheli-mkhosi; wathi uHadade kuFaro, Ndindulule ndiye ezweni lakowethu.

11:22b.1KI.011.022 Wathi uFaro kuye, Uswele ntoni na kum, le nto ufuna ukuya ezweni lakowenu? Wathi, yena, Nento le; noko ke ndindulule.

11:23b.1KI.011.023 UThixo wamvelisela omnye umchasi onguRezon, unyana kaEliyada, owabalekayo kuHadadezere, ukumkani waseTsobha, inkosi yakhe.

11:24b.1KI.011.024 Wabuthela kuye amadoda, waba ngumthetheli wempi, ekubabulaleni kukaDavide abo. Baya ke eDamasko, bahlala khona, baba nobukumkani eDamasko.

11:25b.1KI.011.025 Waba lutshaba lwamaSirayeli yonke imihla kaSolomon; ke ngobu bubi wabenzayo uHadade, wakruquka ngamaSirayeli; waye engukumkani kwa-Aram.

11:26b.1KI.011.026 NoYarobheham, unyana kaNebhati, umEfrayim waseTsereda, umkhonzi kaSolomon, ogama lonina belinguTseruya, umhlolokazi, wasiphakamisa isandla kukumkani.

11:27b.1KI.011.027 Nantsi ke imbangi yokuba amphakamisele isandla ukumkani. USolomon wayesakha iMilo, wavala ithuba lomzi kaDavide uyise.

11:28b.1KI.011.028 Ke le ndoda inguYarobheham ibiligorha elinobukroti. Wayibona uSolomon le ndodana, ukuba iyasebenza, wayenza umphathi womthwalo wonke wendlu kaYosefu.

11:29b.1KI.011.029 Kwathi ngelo xesha, uYarobheham waphuma eYerusalem; wathi uAhiya waseShilo, umprofeti, wamfumana endleleni; wayambethe ke ingubo entsha; baye bobabini bebodwa endle.

11:30b.1KI.011.030 Wesuka uAhiya, wayibamba loo ngubo intsha abenayo, wayiqwenga; yaziziqwenga ezilishumi elinazibini.

11:31b.1KI.011.031 Wathi uAhiya kuYarobheham, Zithabathele iziqwenga zibe lishumi: ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiya kubukrazula ubukumkani esandleni sikaSolomon, ndikunike izizwe zibe lishumi;

11:32b.1KI.011.032 esinye isizwe sibe kuye ngenxa yomkhonzi wam uDavide, nangenxa yeYerusalem, umzi endiwunyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli.

11:33b.1KI.011.033 Ndibukrazula ngenxa enokuba bendishiyile mna, baqubuda kuAshtoreti, uthixo wamaMowabhi, nakuMilikom, uthixo woonyana baka-Amon; abahamba ngeendlela zam, ukuba benze okuthe tye ngeendlela zam, ukuba benze okuthe tye emehlweni am, nemimiselo yam, namasiko am, njengoDavide uyise.

11:34b.1KI.011.034 Andiyi kubuthabatha bonke ubukumkani esandleni sakhe; ndomenza abe sisikhulu yonke imihla yobomi bakhe, ngenxa kaDavide umkhonzi wam endamnyulayo, owayigcinayo imithetho yam nemimiselo yam.

11:35b.1KI.011.035 Ndobuthabatha ubukumkani esandleni sonyana wakhe, ndinike wena izizwe ezilishumi ke;

11:36b.1KI.011.036 unyana wakhe ndimnike isizwe esinye, ukuze kubekho isibane kuDavide, umkhonzi wam, yonke imihla phambi kwam eYerusalem, umzi endiwunyulileyo ukuba ndibeke khona igama lam.

11:37b.1KI.011.037 Ndokuthabatha, ube ngukumkani kuko konke othe wakunqwenela umphefumlo wakho, ube ngukumkani kumaSirayeli.

11:38b.1KI.011.038 Kothi, ukuba uthe wakuphulaphula konke endikuwisela umthetho ngako, wahamba ngeendlela zam, wenza okuthe tye emehlweni am, ukuba ugcine imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wenza ngako uDavide umkhonzi wam: ndibe nawe, ndikwakhele indlu esimakade, njengoko ndamakhelayo uDavide, ndikunike amaSirayeli;

11:39b.1KI.011.039 ndiyibandezele imbewu kaDavide ngenxa yoku; kodwa kungade kube ngonaphakade.

11:40b.1KI.011.040 USolomon wafuna ukumbulala uYarobheham; wesuka uYarobheham wabalekela eYiputa kuShishaki, ukumkani weYiputa. Waba seYiputa wada wafa uSolomon.

11:41b.1KI.011.041 Ezinye izinto zikaSolomon, nako konke awakwenzayo, nobulumko bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi kaSolomon?

11:42b.1KI.011.042 Ke imihla abengukumkani ngayo uSolomon eYerusalem kumaSirayeli onke, yaba yiminyaka emashumi mane.

11:43b.1KI.011.043 USolomon walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide uyise; uRehabheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

12

12:1b.1KI.012.001 URehabheham waya kwaShekem; ngokuba amaSirayeli onke abeye kumenza ukumkani kwaShekem.

12:2b.1KI.012.002 Kwathi akuva uYarobheham, unyana kaNebhati (eseYiputa, apho wayebalekele khona ebusweni bukaSolomon ukumkani; ehleli uYarobheham eYiputa, bathumela bambiza),

12:3b.1KI.012.003 weza uYarobheham nebandla lonke lakwaSirayeli, bathetha noRehabheham, besithi,

12:4b.1KI.012.004 Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu; ke wena yenze lula inkonzo elukhuni kayihlo, nedyokhwe yakhe enzima awayibeka phezu kwethu, ukuze sikukhonze.

12:5b.1KI.012.005 Wathi kubo, Khanindikhwelele iintsuku zibe ntathu, nibuye nize kum. Bemka ke abantu.

12:6b.1KI.012.006 Ukumkani uRehabheham wacebisana namadoda amakhulu, abesakuma phambi koSolomon uyise oko abesahleli, wathi, Ninika cebo lini na nina, ukuze ndibanike ilizwi aba bantu?

12:7b.1KI.012.007 Athetha ke kuye, esithi, Ukuba uthe namhla waba ngumkhonzi kwaba bantu, wabakhonza, wabaphendula, wathetha amazwi amahle kubo, boba ngabakhonzi bakho yonke imihla.

12:8b.1KI.012.008 Walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona, wacebisana namadodana aziintanga zakhe, abemi phambi kwakhe;

12:9b.1KI.012.009 wathi kuwo, Ninika cebo lini na nina, ukuze sibanike ilizwi aba bantu bathethileyo kum, besithi, Yenze lula idyokhwe awayibeka phezu kwethu uyihlo?

12:10b.1KI.012.010 Athetha ke kuye amadodana aziintanga zakhe, esithi, Yithi kwaba bantu bathethe kuwe, besithi, Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, yenze lula kuthi wena; yithi kubo, Ucikicane wam uya kuba nesibili kunesinqe sikabawo.

12:11b.1KI.012.011 Ke, ekubeni ubawo ebenithwalise idyokhwe enzima, mna ke ndiya kongeza edyokhweni yenu; ubawo ubenibetha ngeentsontelo, mna ke ndiya kunibetha ngeekatsi.

12:12b.1KI.012.012 Baya ke ooYarobheham nabantu bonke kuRehabheham ngomhla wesithathu, njengoko wayethethe ngako ukumkani, esithi, Nobuya nize kum ngomhla wesithathu.

12:13b.1KI.012.013 Ukumkani wabaphendula abantu kalukhuni, walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona.

12:14b.1KI.012.014 Wathetha kubo ngokwecebo lamadodana, esithi, Ubawo wayenza nzima idyokhwe yenu, mna ke ndiya kongeza edyokhweni yenu; ubawo wanibetha ngeentsontelo, mna ke ndiya kunibetha ngeekatsi.

12:15b.1KI.012.015 Akabaphulaphulanga ke abantu ukumkani; ngokuba esi siphendu sibe siphuma kuYehova, ukuze alimise izwi lakhe, abelithethile uYehova ngoAhiya waseShilo kuYarobheham, unyana kaNebhati.

12:16b.1KI.012.016 Akubona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Asinalifa kunyana kaYese. Ezintenteni zenu, maSirayeli! Zikhangelele ngoku ngokwakho indlu yakho, Davide! Aya ezintenteni zawo ke amaSirayeli.

12:17b.1KI.012.017 Ke oonyana bakaSirayeli ababehleli emizini yakwaYuda, uRehabheham waba ngukumkani kubo.

12:18b.1KI.012.018 Ukumkani uRehabheham wathuma uAdoram, obephethe abafakwa uviko. Esuka onke amaSirayeli, amxuluba ngamatye; wafa. Ukumkani uRehabheham wakhawuleza waya kukhwela enqwelweni yakhe, ukuba asabele eYerusalem.

12:19b.1KI.012.019 Akreqa ke amaSirayeli endlwini kaDavide unanamhla.

12:20b.1KI.012.020 Kwathi, akuva onke amaSirayeli ukuba uYarobheham ubuyile, athumela ambizela ebandleni, amenza ukumkani wamaSirayeli onke; akwabakho ulandela indlu kaDavide, saba sisizwe sakwaYuda sodwa.

12:21b.1KI.012.021 Weza uRehabheham eYerusalem, wabizela ndawonye yonke indlu yakwaYuda, kwanesizwe sakwaBhenjamin, ikhulu elinamanci asibhozo lamawaka amadodana okulwa imfazwe, ukuba aye kulwa nendlu kaSirayeli, bubuyiselwe ubukumkani kuRehabheham unyana kaSolomon.

12:22b.1KI.012.022 Lafika ilizwi likaThixo kuShemaya, umfo wakwaThixo, lisithi,

12:23b.1KI.012.023 Yitsho kuRehabheham unyana kaSolomon, ukumkani wakwaYuda, nakwindlu yonke yakwaYuda, nakuBhenjamin, nakubantu abaseleyo, ukuthi,

12:24b.1KI.012.024 Utsho uYehova ukuthi, Ize ninganyuki; ize ningalwi nabazalwana benu oonyana bakaSirayeli. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphuma kum le nto. Baliphulaphula ilizwi likaYehova, babuya, bahamba ngokwelizwi likaYehova.

12:25b.1KI.012.025 Ke uYarobheham wawakha umzi wakwaShekem kweleentaba lakwaEfrayim, wahlala khona; waphuma apho wakha iPenuweli.

12:26b.1KI.012.026 Wathi uYarobheham entliziyweni yakhe, Kaloku ubukumkani buya kubuyela endlwini kaDavide.

12:27b.1KI.012.027 Ukuba bathe benyuka aba bantu, baya kubingelela endlwini kaYehova eYerusalem, yobuya intliziyo yaba bantu iye enkosini yabo, kuRehabheham, ukumkani wakwaYuda; bandibulale mna, babuyele kuRehabheham ukumkani wakwaYuda.

12:28b.1KI.012.028 Waceba ke ukumkani, wenza amathole egolide amabini; wathi kubo, Niyaxhamleka kukunyuka niye eYerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli, owakukhuphayo ezweni laseYiputa!

12:29b.1KI.012.029 Walimisa ke elinye eBhetele, walimisa elinye kwaDan.

12:30b.1KI.012.030 Yathi loo nto yaba sisono; bahamba abantu baya phambi kwelo likwaDan.

12:31b.1KI.012.031 Wenza indlu yasezigangeni, wenza ababingeleli eluntwini lonke, ababengengabo abakoonyana bakaLevi.

12:32b.1KI.012.032 UYarobheham wenza umthendeleko ngenyanga yesibhozo, ngoweshumi elinesihlanu umhla kuloo nyanga, onjengomthendeleko wakwaYuda; wenyusa amadini esibingelelweni.

12:33b.1KI.012.033 Wenjenjalo eBheteli, ebingelela kumathole lawo abewenzile; wamisa eBheteli ababingeleli beziganga awazenzayo. Wenyusa amadini esibingelelweni awasenzayo eBheteli, ngoweshumi elinesihlanu umhla wenyanga yesibhozo, ngenyanga leyo abeyicamangile kweyakhe intliziyo; wabenzela umthendeleko oonyana bakaSirayeli, wenyusa amadini esibingelelweni, ukuba kuqhunyiselwe.

13

13:1b.1KI.013.001 Nanko, kuvela umfo wakwaThixo kwaYuda ngokwelizwi likaYehova, weza eBheteli; uYarobheham wayemi ugasesibingelelweni eqhumisela.

13:2b.1KI.013.002 Wankqangaza esibingelelweni ngokwelizwi likaYehova, wathi, Sibingelelo, sibingelelo! Utsho uYehova ukuthi, Uyabona, kuya kuzalwa unyana kwindlu kaDavide, ogama linguYosiya; oya kubabingelela phezu kwakho lo ababingeleli beziganga, abaqhumisela phezu kwakho, kutshiswe amathambo abantu phezu kwakho.

13:3b.1KI.013.003 Kwangaloo mini wabaxelela isimanga esiya kuhla, esithi, Siso esi isimanga asithethileyo uYehova: Yabona, isibingelelo esi siya kukrazuka, luphalale uthuthu oluphezu kwaso.

13:4b.1KI.013.004 Kwathi, akuliva ukumkani ilizwi lomfo wakwaThixo, owankqangazayo esibingelelweni eBheteli, wasolula uYarobheham isandla sakhe esesibingelelweni, wathi, Mbambeni. Sesuka soma isandla sakhe abesolulele kuye, akaba nako ukusibuyisela kwakuye.

13:5b.1KI.013.005 Sakrazuka isibingelelo, lwaphalala uthuthu esibingelelweni, ngokwesimanga abesixelile umfo wakwaThixo ngelizwi likaYehova.

13:6b.1KI.013.006 Waphendula ukumkani, wathi kumfo wakwaThixo, Khawumbongoze uYehova uThixo wakho, undithandazele, sibuyiselwe kum isandla sam. Umfo wakwaThixo wambongoza ke uYehova, sabuyiselwa kuye isandla sokumkani, saba njengokwangaphambili.

13:7b.1KI.013.007 Wathetha ke ukumkani kumfo wakwaThixo, wathi, Hamba siye ekhaya, uzixhase, ndikunike isipho.

13:8b.1KI.013.008 Wathi umfo wakwaThixo kukumkani, Ungafanelana uthe wandinika isiqingatha sendlu yakho, andingekhe ndiye nawe, andingekhe ndidle sonka, andingekhe ndisele manzi kule ndawo.

13:9b.1KI.013.009 Ngokuba kwenjiwa nje ukumiselwa kwam lilizwi likaYehova, kwathiwa, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi, ungabuyi ngendlela obuze ngayo.

13:10b.1KI.013.010 Waza wahamba ngandlela yimbi, akabuya ngendlela abeze ngayo eBheteli.

13:11b.1KI.013.011 Ke kaloku kwakuhleli eBheteli umprofeti othile, obeseleyindoda enkulu; weza unyana wakhe, wamcacisela konke awakwenzayo umfo wakwaThixo loo mini eBheteli; namazwi awawathethayo kukumkani, wawacacisa kuyise.

13:12b.1KI.013.012 Wathi uyise kubo, Uhambe ngayiphi na indlela? Babeyibonile ke indlela oonyana bakhe, ahambe ngayo umfo wakwaThixo, owayevele kwaYuda.

13:13b.1KI.013.013 Wathi koonyana bakhe, Ndibopheleni iesile. Bambophela ke iesile, wakhwela kulo.

13:14b.1KI.013.014 Walandela umfo wakwaThixo, wamfumana ehleli phantsi komterebhinti, wathi kuye, Unguye na umfo wakwaThixo lo ubevela kwaYuda? Wathi yena, Ndinguye.

13:15b.1KI.013.015 Wathi kuye, Hamba siye ekhaya, udle isonka.

13:16b.1KI.013.016 Wathi yena, Andinakubuya nawe; andinakungena nawe; andiyi kudla sonka, andiyi kusela manzi nawe kule ndawo;

13:17b.1KI.013.017 kuba kuthiwe kum lilizwi likaYehova, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi khona, ungabuyi uhambe ngendlela obuze ngayo.

13:18b.1KI.013.018 Wathi kuye, Ndingumprofeti nam njengawe; kuthethe isithunywa sezulu kum ngelizwi likaYehova, sisithi, Mbuyise, eze nawe endlwini yakho, adle isonka, asele amanzi. Watsho emxokisa.

13:19b.1KI.013.019 Wabuya ke naye, wadla isonka endlwini yakhe, wasela amanzi.

13:20b.1KI.013.020 Kwathi, behleli etafileni apho, kwafika ilizwi likaYehova kuloo mprofeti ubembuyisile;

13:21b.1KI.013.021 wankqangaza kuloo mfo wakwaThixo ubevele kwaYuda, esithi, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uwuphikisile umlomo kaYehova, akwawugcina umthetho abekuwisele uYehova uThixo wakho,

13:22b.1KI.013.022 wesuka wabuya, wadla isonka, wasela amanzi kule ndawo awathetha ngayo kuwe, esithi, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi: isidumbu sakho asiyi kungena engcwabeni looyihlo.

13:23b.1KI.013.023 Kwathi emveni kokudla kwakhe isonka, emveni kokusela kwakhe, wambophela iesile umprofeti lowo abembuyisile.

13:24b.1KI.013.024 Wahamba, wafunyanwa yingonyama endleleni, yambulala; sathi isidumbu sakhe saqungquluza endleleni; lema ecaleni laso iesile, nengonyama yema ecaleni lesidumbu eso.

13:25b.1KI.013.025 Kwabonakala kudlula amadoda; asibona isidumbu eso siqungquluzile endleleni, imi ingonyama leyo ecaleni lesidumbu; afika axela kuloo mzi, abehleli kuwo umprofeti obeseleyindoda enkulu.

13:26b.1KI.013.026 Weva umprofeti obembuyise endleleni, wathi, Ngulaa mfo wakwaThixo uwuphikisileyo umlomo kaYehova. UYehova umnikele engonyameni; yamqoba, yambulala ngokwelizwi likaYehova, abelithethe kuye.

13:27b.1KI.013.027 Wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndibopheleni iesile. Balibopha.

13:28b.1KI.013.028 Wahamba ke, wasifumana isidumbu sakhe siqungquluzile endleleni, limi iesile nengonyama ecaleni lesidumbu, ingonyama ingasidlanga isidumbu, ingaliqobanga ne-esile.

13:29b.1KI.013.029 Wasifunqula umprofeti isidumbu somfo wakwaThixo, wasibeka e-esileni, wabuya naso. Weza ekhaya umprofeti lowo useleyindoda enkulu, ukuba ammbambazelele, amngcwabe.

13:30b.1KI.013.030 Wasibeka isidumbu engcwabeni lakhe, bammbambazelela besithi, Yoo! Mzalwana wam!

13:31b.1KI.013.031 Kwathi, emveni kokumngcwaba kwabo, wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndakufa, ndingcwabeleni engcwabeni angcwatyelwe kulo umfo wakwaThixo; walaliseni ngasemathanjeni akhe amathambo am.

13:32b.1KI.013.032 Ngokuba, inene, liya kwenzeka ilizwi, alinkqangazileyo ngelizwi likaYehova esibingelelweni esiseBheteli, nasezindlwini zonke zasezigangeni, ezisemizini yakwaSamari.

13:33b.1KI.013.033 Emva koko uYarobheham akabuyanga endleleni yakhe embi; wabuya wenza ababingeleli beziganga eluntwini lonke; wathi athe wamthanda, wammisela, waba ngowababingeleli beziganga.

13:34b.1KI.013.034 Yathi loo nto yaba sisono sendlu kaYarobheham, ukuba itshone itshabalale, ingabikho phezu komhlaba.

14

14:1b.1KI.014.001 Ngelo xesha wahliwa sisifo uAbhiya, unyana kaYarobheham.

14:2b.1KI.014.002 Wathi uYarobheham kumkakhe, Khawusuke uzenze mntu wumbi, bangakwazi ukuba ungumkaYarobheham; uhambe uye eShilo; nanko apho uAhiya umprofeti, owandixelelayo ukuba ndiya kuba ngukumkani waba bantu;

14:3b.1KI.014.003 uphathe esandleni sakho izonka ezilishumi, nemiqhathane, neselwa lobusi, uye kuye: wokuxelela okuya kubakho kulo mntwana.

14:4b.1KI.014.004 Wenjenjalo umkaYarobheham, wesuka waya eShilo, wangena endlwini ka-Ahiya. Ke kaloku uAhiya ebengenakubona, ngokuba amehlo akhe abenorhatyazo ngobudala bakhe.

14:5b.1KI.014.005 Wathi uYehova kuAhiya, Nanko umkaYarobheham eza kubuza into kuwe ngonyana wakhe; ngokuba esifa. Uze uthi, uthi, ukuthetha kuye; kuba wothi ekungeneni kwakhe, azenze mntu wumbi.

14:6b.1KI.014.006 Kwathi, akusiva uAhiya isingqi seenyawo zakhe, engena emnyango, wathi, Ngena, mkaYarobheham, yini na ukuba uzenze mntu wumbi? Ndithunywe kuwe udaba olubi.

14:7b.1KI.014.007 Yiya, uthi kuYarobheham, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba ndakuphakamisayo phakathi kwabantu, ndakwenza inganga kubantu bam amaSirayeli,

14:8b.1KI.014.008 ndabukrazula ubukumkani endlwini kaDavide, ndakunika; wesuka akwafuza umkhonzi wam uDavide, owayigcinayo imithetho yam, owandilandelayo ngentliziyo yakhe yonke, ukuba enze okuthe tye kodwa emehlweni am;

14:9b.1KI.014.009 wesuka wena wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababekho ngaphambi kwakho, waya wazenzela thixo bambi, nemifanekiso etyhidiweyo, ukuba undiqumbise, wandiphosa emva komhlana wakho:

14:10b.1KI.014.010 ngako oko, yabona, ndiya kuyizisela ububi indlu kaYarobheham, ndiyinqamle kwaYarobheham yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli, ndiwatshayele amavela-mva endlu kaYarobheham, njengokutshayelwa kwelindle, kude kuthi tu.

14:11b.1KI.014.011 OkaYarobheham ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu; ngokuba uYehova ethethile.

14:12b.1KI.014.012 Suk’ ume ke wena, uhambe uye endlwini yakho; ekungeneni kweenyawo zakho kuwo umzi, uya kufa umntwana.

14:13b.1KI.014.013 Ommbambazelela onke amaSirayeli, amngcwabe; ngokuba nguye yedwa kwaYarobheham, oya kungena engcwabeni; ngenxa yokuba kufunyenwe kuye kukho into elungileyo, ebhekisele kuYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini kaYarobheham.

14:14b.1KI.014.014 UYehova uya kuzivelisela ukumkani kwaSirayeli, oya kuyinqamla indlu kaYarobheham loo mini, Ndisathetha ntoni na, sekunjalo nje?

14:15b.1KI.014.015 UYehova uya kubetha kumaSirayeli, njengengcongolo izanyazanyiswa ema nzini, awanyothule amaSirayeli emhlabeni olungileyo, awawunika ooyise, awachithachithele phesheya koMlambo, ngenxa enokuba enze ooAshera bawo, amqumbisa uYehova;

14:16b.1KI.014.016 awanikele amaSirayeli ngenxa yesono sikaYarobheham, owonayo, wawonisa ngaso amaSirayeli.

14:17b.1KI.014.017 Wesuka ke umkaYarobheham, wahamba, wafika eTirtsa, wathi akuthi ukunyathela embundwini womnyango wendlu, wafa umntwana.

14:18b.1KI.014.018 Amngcwaba, ammbambazelela amaSirayeli onke ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngomkhonzi wakhe, uAhiya umprofeti.

14:19b.1KI.014.019 Ezinye izinto zikaYarobheham, ukulwa kwakhe, nokulawula kwakhe, nanko kubhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

14:20b.1KI.014.020 Imihla awayengukumkani ngayo uYarobheham ngamashumi amabini anesibini iminyaka; walala kooyise. UNadabhi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

14:21b.1KI.014.021 Ke uRehabheham, unyana kaSolomon, waye engukumkani kwaYuda. URehabheham ubeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi awawunyulayo uYehova ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba alibeke khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.

14:22b.1KI.014.022 AmaYuda enza ububi emehlweni kaYehova, amkhweletisa ngaphezu kwako konke ababekwenzile ooyise ngezono zabo, ababesona ngazo.

14:23b.1KI.014.023 Azakhela nazo izinganga, nezimiso zamatye, nooAshera, ezindulini zonke eziphakamileyo, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.

14:24b.1KI.014.024 Kananjalo bekukho amang’awu elizweni, enza ngokwamasikizi onke eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.

14:25b.1KI.014.025 Kwathi ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki, ukumkani waseYiputa, wayifikela iYerusalem.

14:26b.1KI.014.026 Wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha zonke iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.

14:27b.1KI.014.027 Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani.

14:28b.1KI.014.028 Ubesakuthi, akuya ukumkani endlwini kaYehova, ziziphathe izigidimi ezo, zize zizibuyisele egumbini logcino lwezigidimi.

14:29b.1KI.014.029 Ezinye izinto zikaRehabheham, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

14:30b.1KI.014.030 Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla.

14:31b.1KI.014.031 URehabheham walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi. UAbhiyam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

15

15:1b.1KI.015.001 Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYarobheham unyana kaNebhati, waba ngukumkani uAbhiyam kwaYuda.

15:2b.1KI.015.002 Waba neminyaka emithathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.

15:3b.1KI.015.003 Wahamba ezonweni zonke zikayise, awa zenzayo ngaphambi kwakhe; yayingaphelele intliziyo yakhe kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise.

15:4b.1KI.015.004 Noko wathi uYehova uThixo wakhe, ngenxa kaDavide, wamnika isibane eYerusalem, sokumisa unyana wakhe emva kwakhe, sokumisa iYerusalem;

15:5b.1KI.015.005 ekubeni uDavide wakwenzayo okuthe tye emehlweni kaYehova, akatyeka kuko konke awawisayo ngako umthetho, yonke imihla yobomi bakhe, kwaba semcimbini kaUriya umHeti wodwa.

15:6b.1KI.015.006 Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla yobomi bakhe.

15:7b.1KI.015.007 Ezinye izinto zika-Abhiyam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Yaye iyimfazwe ke phakathi koAbhiyam noYarobheham.

15:8b.1KI.015.008 UAbhiyam walala kooyise, bamngcwabela emzini kaDavide. UAsa, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

15:9b.1KI.015.009 Ngomnyaka wamashumi amabini kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, uAsa waba ngukumkani kwaYuda.

15:10b.1KI.015.010 Waba neminyaka emashumi mane anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.

15:11b.1KI.015.011 UAsa wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengoDavide uyise.

15:12b.1KI.015.012 Wawakhwelelisa amang’awu, akabakho ezweni, wazisusa zoruke izigodo ezizizithixo, ababezenzile ooyise.

15:13b.1KI.015.013 KwanoMahaka unina wamguzula, akaba yinkosikazi; ngokuba wamenzela uAshera isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasigawula isithixo sakhe esilisikizi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.

15:14b.1KI.015.014 Ke iziganga azisuswanga; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe iphelele kuYehova yonke imihla yakhe.

15:15b.1KI.015.015 Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezakhe izinto ezingcwele, endlwini kaYehova, isilivere negolide nempahla.

15:16b.1KI.015.016 Yaye iyimfazwe phakathi koAsa noBhahesha, ukumkani wakwaSirayeli, yonke imihla yabo.

15:17b.1KI.015.017 Wenyuka uBhahesha ukumkani wakwaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wakha iRama, ukuba angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda.

15:18b.1KI.015.018 Wayithabatha uAsa yonke isilivere negolide ebisele ebuncwaneni bendlu kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayinikela ezandleni zabakhonzi bakhe. UAsa ukumkani wayithumela kuBhen-hadade, unyana kaTabrimon, unyana kaHeziyon, ukumkani wakwa-Aram, ohleli eDamasko, esithi,

15:19b.1KI.015.019 Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe, phakathi kobawo noyihlo; nanko, ndikuthumele isipho sokukucenga sesilivere negolide; yiza, uwaphule umnqophiso wakho noBhahesha ukumkani wamaSirayeli, ukuba emke kum.

15:20b.1KI.015.020 UBhen-hadade wamphulaphula ukumkani uAsa, wathumela abathetheli bempi abenabo emizini yakwaSirayeli, waxabela i-Iyon, nowakwaDan, neAbhele-bhete-mahaka, neKineroti yonke, kunye nelizwe lonke lakwaNafetali.

15:21b.1KI.015.021 Wathi, akuva uBhahesha, wayiyeka ukuyakha iRama, wahlala eTirtsa.

15:22b.1KI.015.022 Ukumkani uAsa wawahlabela umkhosi amaYuda onke, akwabakho namnye ukhululekileyo. Bawasusa amatye eRama, kwanemithi yayo abesakha ngayo uBhahesha ukumkani; uAsa wakha ke ngayo iGebha yakwaBhenjamin, neMizpa.

15:23b.1KI.015.023 Zonke ezinye izinto zika-Asa, nobugorha bakhe bonke, nako konke awakwenzayo, nemizi awayakhayo, ayibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Uthe ke akuba yindoda enkulu, wabulawa ziinyawo.

15:24b.1KI.015.024 UAsa walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise, emzini kaDavide uyise. UYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

15:25b.1KI.015.025 UNadabhi, unyana kaYarobheham, waba ngukumkani kwaSirayeli ngomnyaka wesibini ka-Asa, ukumkani wakwaYuda; waba neminyaka emibini engukumkani kwaSirayeli.

15:26b.1KI.015.026 Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kayise, nangesono sakhe awawonisa ngaso amaSirayeli.

15:27b.1KI.015.027 Waza uBhahesha, unyana ka-Ahiya, wendlu kaIsakare, wamceba. UBhahesha wamxabela eGibheton yakumaFilisti, beyingqinga iGibheton uNadabhi namaSirayeli onke.

15:28b.1KI.015.028 UBhahesha wambulala ke ngomnyaka wesithathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

15:29b.1KI.015.029 Kwathi, xa angukumkani, wayibulala yonke indlu kaYarobheham; akasalisa namnye uphefumlayo kwaYarobheham, wada wamtshabalalisa, ngokwelizwi likaYehova, abelithethile ngomkhonzi wakhe uAhiya waseShilo:

15:30b.1KI.015.030 ngenxa yezono zikaYarobheham awona ngazo, awawonisa ngazo amaSirayeli; ngokumqumbisa kwakhe awamqumbisa ngako uYehova uThixo kaSirayeli.

15:31b.1KI.015.031 Ezinye izinto zikaNadabhi, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

15:32b.1KI.015.032 Yaye iyimfazwe phakathi koAsa noBhahesha, ukumkani wakwaSirayeli, yonke imihla yabo.

15:33b.1KI.015.033 Ngomnyaka wesithathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uBhahesha, unyana ka-Ahiya, waba ngukumkani kumaSirayeli onke eTirtsa; iminyaka yaba ngamashumi amabini anamine.

15:34b.1KI.015.034 Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kaYarobheham, nangesono sakhe awawonisa ngaso amaSirayeli.

16

16:1b.1KI.016.001 Lafika ke ilizwi likaYehova kuYehu, unyana kaHanani, ngenxa kaBhahesha, lisithi,

16:2b.1KI.016.002 Ngenxa enokuba ndakuphakamisayo eluthulini, ndakwenza inganga yabantu bam amaSirayeli, wesuka wena wahamba ngendlela kaYarobheham, abantu bam amaSirayeli wabonisa ukuba bandiqumbise ngezono zabo:

16:3b.1KI.016.003 yabona, ndiyawatshayela amavela-mva kaBhahesha, namavela-mva endlu yakhe, ndiyenze indlu yakho ibe njengendlu kaYarobheham, unyana kaNebhati.

16:4b.1KI.016.004 OkaBhahesha ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; owakhe ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu.

16:5b.1KI.016.005 Ezinye izinto zikaBhahesha, nawakwenzayo, nobugorha bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

16:6b.1KI.016.006 UBhahesha walala kooyise, wangcwatyelwa eTirtsa. UEla, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

16:7b.1KI.016.007 Kananjalo ngesandla sikaYehu, unyana kaHanani, umprofeti, lafika ilizwi likaYehova kuBhahesha nakwindlu yakhe, nangenxa yobubi bonke awabenzayo emehlweni kaYehova, ukumqumbisa ngezenzo zezandla zakhe, ukuba ibe njengendlu kaYarobheham, nangenxa yokuba wamxabelayo.

16:8b.1KI.016.008 Ngomnyaka wamashumi omabini anamithandathu ka-Asa, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uEla unyana kaBhahesha, kwaSirayeli eTirtsa; yaba yiminyaka emibini.

16:9b.1KI.016.009 Wamceba umkhonzi wakhe uZimri, umthetheli wesiqingatha seenqwelo zakhe zokulwa, eseTirtsa, esela enxila endlwini ka-Arza, owayephethe indlu yakhe eTirtsa.

16:10b.1KI.016.010 Wangena ke uZimri, wamxabela, wambulala, ngomnyaka wamashumi amabini anesixhenxe ka-Asa ukumkani wakwaYuda; waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

16:11b.1KI.016.011 Kwathi, akuba ngukumkani, kwaesaqala ukuhlala etroneni yakhe, wayixabela yonke indlu kaBhahesha, akamsalisela nanye into eyindoda, nongumzalwana wakhe, nongumhlobo wakhe.

16:12b.1KI.016.012 Wayitshabalalisa uZimri yonke indlu kaBhahesha ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo kuBhahesha ngoYehu umprofeti;

16:13b.1KI.016.013 ngenxa yezono zonke zikaBhahesha, nezono zikaEla unyana wakhe, abona ngazo, abawonisa ngazo amaSirayeli, ukumqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli ngeento zabo ezingento.

16:14b.1KI.016.014 Ezinye izinto zikaEla, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

16:15b.1KI.016.015 Ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe ka-Asa, ukumkani wakwaYuda, uZimri waba nemihla esixhenxe engukumkani eTirtsa. Abantu babemise iintente eGibheton eyeyamaFilisti.

16:16b.1KI.016.016 Beva abantu ababemise khona, kusithiwa, UZimri umcebile, kananjalo umbulele ukumkani. Onke amaSirayeli amenza ukumkani kumaSirayeli uOmri, umthetheli-mkhosi, kwangaloo mini emkhosini.

16:17b.1KI.016.017 Wenyuka ke uOmri enamaSirayeli onke esuka eGibheton, ayingqinga iTirtsa.

16:18b.1KI.016.018 Kwathi, akubona uZimri ukuba uza kuthinjwa umzi, wangena enqabeni yendlu yokumkani, wayitshisa ngomlilo phezu kwakhe indlu yokumkani, wafa;

16:19b.1KI.016.019 ngenxa yezono zakhe awona ngazo, wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kaYarobheham, nangezono zakhe awazenzayo wawonisa ngazo amaSirayeli.

16:20b.1KI.016.020 Ezinye izinto zikaZimri, nokuceba kwakhe awaceba ngako, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

16:21b.1KI.016.021 Baza bahluka kubini abantu bakwaSirayeli: esinye isahlulo sabantu salandela uTibheni, unyana kaGinati, ukuba simenze ukumkani; esinye isahlulo salandela uOmri.

16:22b.1KI.016.022 Abantu ababelandela uOmri baboyisa abo bantu babelandela uTibheni, unyana kaGinati; wafa uTibheni; waba ngukumkani uOmri.

16:23b.1KI.016.023 Ngomnyaka wamashumi amathathu anamnye ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uOmri waba ngukumkani wamaSirayeli, iminyaka yaba lishumi elinamibini; waba ngukumkani eTirtsa iminyaka emithandathu.

16:24b.1KI.016.024 Waza wathenga intaba yakwaSamari kuSamari ngeetalente ezimbini zesilivere, wakha kuloo ntaba, wathi igama laloo mzi wawakhayo yiSamari, ngegama likaSamari umninintaba.

16:25b.1KI.016.025 UOmri wenza okubi emehlweni kaYehova; wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwakhe.

16:26b.1KI.016.026 Wahamba ngendlela yonke kaYarobheham unyana kaNebhati, nangezono zakhe awawonisa ngazo amaSirayeli, ukumqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli ngezinto zabo ezingento.

16:27b.1KI.016.027 Ezinye izinto zikaOmri awazenzayo, nobugorha bakhe awabenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

16:28b.1KI.016.028 UOmri walala kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari, uAhabhi unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

16:29b.1KI.016.029 UAhabhi, unyana kaOmri, waba ngukumkani kumaSirayeli ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo ka-Asa, ukumkani wakwaYuda; uAhabhi unyana kaOmri waba neminyaka emashumi mabini anamibini engukumkani kumaSirayeli kwaSamari.

16:30b.1KI.016.030 UAhabhi unyana kaOmri wenza okubi emehlweni kaYehova ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwakhe.

16:31b.1KI.016.031 Ke, ngokungathi kulula kuye ukuhamba ngezono zikaYarobheham unyana kaNebhati, wesuka wazeka uIzebhele, intombi kaEtebhahali ukumkani wamaTsidon, wangumkakhe; waya wakhonza uBhahali, wamnqula.

16:32b.1KI.016.032 Wammisela uBhahali isibingelelo, endlwini kaBhahali, abemakhele yona kwaSamari.

16:33b.1KI.016.033 UAhabhi wenza uAshera; uAhabhi waqokela ukumqumbisa uYehova uThixo wakwaSirayeli, ngaphezu kwabo bonke ookumkani bakwaSirayeli ababengaphambi kwakhe.

16:34b.1KI.016.034 Ngeemini zakhe wayakha uHiyeli waseBheteli iYeriko; wayiseka ngoAbhiram, amazibulo akhe, wawamisa amasango ayo ngoSegubhi, owamathumbu akhe, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngoYoshuwa unyana kaNun.

17

17:1b.1KI.017.001 Wathi uEliya waseTishbhi, wasezindwendweni zaseGiliyadi, kuAhabhi, Ehleli nje uYehova uThixo wakwaSirayeli, endimi phambi kwakhe, akuyi kukha kubekho mbethe namvula le minyaka, kungengalo ilizwi lam.

17:2b.1KI.017.002 Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,

17:3b.1KI.017.003 Hamba umke apha, ubheke empumalanga, uzimele emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan.

17:4b.1KI.017.004 Wothi usele emlanjaneni apho; ndiwawisele umthetho amahlungulu ukuba akuxhase khona.

17:5b.1KI.017.005 Wahamba ke wenza ngokwelizwi likaYehova, waya wahlala emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan.

17:6b.1KI.017.006 Amahlungulu amzisela isonka nenyama kusasa, isonka nenyama ngokuhlwa, wasela emlanjaneni apho.

17:7b.1KI.017.007 Kuthe, kwakuhamba ixesha, watsha umlanjana, ngokuba bekungabangakho mvula ezweni.

17:8b.1KI.017.008 Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,

17:9b.1KI.017.009 Suka uye eTsarfati yaseTsidon, uhlale khona; uyabona, ndimwisele umthetho khona umfazi ongumhlolokazi, ukuba akuxhase.

17:10b.1KI.017.010 Wesuka ke waya eTsarfati, wafika esangweni lomzi; nanko kukho apho umfazi ongumhlolokazi echola iinkuni; wambiza, wathi, Khawundikhelele intwana yamanzi ngesitya, ndisele.

17:11b.1KI.017.011 Waya kuwakha; wambiza, wathi, Khawundiphathele neqhekeza lesonka ngesandla.

17:12b.1KI.017.012 Wathi, Ehleli nje uYehova, uThixo wakho, andinasonka; ngumgubo ongazalisa isandla emphandeni, nentwana yeoli eselweni; uyabona ke, ndichola iinkuni ezimbini, ukuba ndiye ndenzele mna nonyana wam, sidle, sife.

17:13b.1KI.017.013 Wathi uEliya kuye, Musa ukoyika; yiya, wenze ngokwelizwi lakho; kodwa ke ndenzele isonkana ngawo ukuqala, undizisele, uzenzele ke wena nonyana wakho emveni koko.

17:14b.1KI.017.014 Ngokuba utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Umphanda womgubo awuyi kuphela, neselwa leoli aliyi kuminyelelwa, ide ifike imini aya kuyinisa ngayo imvula uYehova phezu komhlaba.

17:15b.1KI.017.015 Waya ke, wenza ngokwelizwi likaEliya, wadla yena, naye, nendlu yakhe, zaziintsuku.

17:16b.1KI.017.016 Umphanda womgubo awuphelanga, iselwa leoli alaminyelelwa, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngoEliya.

17:17b.1KI.017.017 Kwathi emveni kwezo zinto, wahliwa sisifo unyana waloo mfazi ungumnikazindlu; sathi isifo sakhe saba nzima kakhulu, kwada akwabakho kuphefumla kuye.

17:18b.1KI.017.018 Wathi kuEliya, Yintoni na enam nawe, mfo wakwaThixo? Uze kum, ukuba undikhumbuze ubugwenxa bam, umbulale unyana wam?

17:19b.1KI.017.019 Wathi kuye, Ndinike unyana wakho. Wamthabatha ke esifubeni sakhe, wenyuka naye, waya egumbini eliphezulu abehlala kulo, wamlalisa phezu kwesingqengqelo sakhe.

17:20b.1KI.017.020 Wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, umenzele ububi nomhlolokazi lo na ndiphambukele kuye, ngokubulala unyana wakhe?

17:21b.1KI.017.021 Wazolula phezu komntwana izihlandlo zazithathu, wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, mawukhe ubuyele phakathi kwakhe umphefumlo walo mntwana.

17:22b.1KI.017.022 Waliva uYehova ilizwi likaEliya; wabuyela phakathi kwakhe umphefumlo waloo mntwana, waphila.

17:23b.1KI.017.023 Wamthabatha uEliya umntwana, wehla naye egumbini eliphezulu, waya endlwini, wamnika unina; wathi uEliya, Uyabona, uphilile unyana wakho.

17:24b.1KI.017.024 Wathi loo mfazi kuEliya, Kaloku ke ndiyazi ukuba ungumfo wakwaThixo wena, nelizwi likaYehova elisemlonyeni wakho liyinyaniso.

18

18:1b.1KI.018.001 Kwathi kwakuba mzuzu, lafika ilizwi likaYehova kuEliya ngomnyaka wesithathu, lathi, Hamba uye kubonana noAhabhi, ndinise imvula phezu komhlaba.

18:2b.1KI.018.002 Wahamba waya kubonana uEliya noAhabhi. Indlala ke yayinzima kwaSamari.

18:3b.1KI.018.003 UAhabhi wayebize uObhadiya, obephethe indlu yakhe (uObhadiya ke wayemoyika uYehova kunene:

18:4b.1KI.018.004 wayethe yena ekubanqamleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, uObhadiya wathabatha ikhulu labaprofeti, wabazimeza ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, wabondla ngesonka namanzi).

18:5b.1KI.018.005 Wathi ke uAhabhi kuObhadiya, Hamba uye ezweni, emithonjeni yonke yamanzi nasemilanjaneni yonke; mhlawumbi sofumana utyani, siphilise amahashe noondlebende, zingabuthisi zonke iinkomo.

18:6b.1KI.018.006 Balahlula ilizwe phakathi kwabo, ukuba bacande kulo; uAhabhi wahamba ngenye indlela yedwa, uObhadiya wahamba ngenye indlela yedwa.

18:7b.1KI.018.007 Kwathi ke, esendleleni uObhadiya, wabonakala uEliya emkhawulela, wamazi, wawa ngobuso, wathi, Nguwe na lo, nkosi yam Eliya?

18:8b.1KI.018.008 Wathi yena kuye, Ndim. Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya.

18:9b.1KI.018.009 Wathi, Ndenze sono sini na, ukuba umnikele umkhonzi wakho esandleni sika-Ahabhi ukuba andibulale?

18:10b.1KI.018.010 Ehleli nje uYehova uThixo wakho, akukho luhlanga nabukumkani, apho ingathumelanga khona inkosi yam, ikufuna; bakuthi, Akakho, yabafungisa ubukumkani nohlanga olo, ukuthi akufumanekanga.

18:11b.1KI.018.011 Kaloku ke uthi, Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya.

18:12b.1KI.018.012 Kothi, ndithe ndemka kuwe, uMoya kaYehova akuthwalele apho ndingaziyo; ndiye ndixelele uAhabhi, angakufumani, andibulale; umkhonzi wakho lo umoyike uYehova kwasebuncinaneni bam.

18:13b.1KI.018.013 Bekungaxelwanga na enkosini yam endakwenzayo ekubabulaleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, ndazimeza ikhulu lamadoda kubaprofeti bakaYehova, ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, ndabondla ngesonka nangamanzi?

18:14b.1KI.018.014 Kaloku ke uthi, Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya; ukuze indibulale.

18:15b.1KI.018.015 Wathi uEliya, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimiyo phambi kwakhe, inene, namhlanje ndiya kubonana naye.

18:16b.1KI.018.016 UObhadiya waya kumkhawulela ke uAhabhi, wamxelela; wahamba uAhabhi, waya kumkhawulela uEliya.

18:17b.1KI.018.017 Kwathi, uAhabhi akumbona uEliya, wathi uAhabhi kuye, Ulapha na wena, uwahlisele intlekele amaSirayeli?

18:18b.1KI.018.018 Wathi yena, Andiwahliselanga ntlekele amaSirayeli; nguwe nendlu kayihlo, ngokuyishiya kwenu imithetho kaYehova, walandela ooBhahali.

18:19b.1KI.018.019 Ke ngoko, thumela uwahlanganisele kum amaSirayeli onke entabeni yeKarmele, nabaprofeti bakaBhahali abangamakhulu amane anamanci mahlanu, nabaprofeti baka-Ashera abangamakhulu amane, abadla etafileni kaIzebhele.

18:20b.1KI.018.020 Wathumela ke uAhabhi koonyana bonke bakaSirayeli, wabahlanganisela abaprofeti entabeni yeKarmele.

18:21b.1KI.018.021 Wafika uEliya ebantwini abo bonke, wathi, Koda kube nini na nimbaxa? Ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; ke ukuba nguBhahali uThixo, landelani yena. Abamphendula nezwi abantu.

18:22b.1KI.018.022 Wathi uEliya ebantwini, Kusele mna ndodwa umprofeti kaYehova; ke abakaBhahali abaprofeti ngamakhulu amane anamanci amahlanu amadoda.

18:23b.1KI.018.023 Masinikwe iinkunzi ezintsha zibe mbini, bazinyulele ke enye inkunzi entsha, bayityatye, bayibeke phezu kweenkuni, bangafaki mlilo; nam ndiyilungise enye inkunzi entsha, ndiyibeke phezu kweenkuni, ndingafaki mlilo.

18:24b.1KI.018.024 Nize ninqule igama lothixo wenu, mna ndinqule igama likaYehova; athi, uThixo othe waphendula ngomlilo, abe nguye uThixo. Baphendula bonke abantu bathi, Lihle elo lizwi.

18:25b.1KI.018.025 Wathi ke uEliya kubaprofeti bakaBhahali, Zinyuleleni inkunzi entsha ibe nye, nizenzele kuqala; ngokuba nibaninzi nina; ninqule igama lothixo wenu, ningafaki mlilo.

18:26b.1KI.018.026 Bayithabatha ke inkunzi entsha ababeyinikiwe, bayilungisa, banqula igama likaBhahali, beqale kusasa kwada kwaba semini enkulu, besithi, Bhahali, siphendule. Akwabakho zwi, akwabakho uphendulayo. Baxhentsa ngasesibingelelweni esasenziwe.

18:27b.1KI.018.027 Kwathi emini enkulu, uEliya wadlala ngabo, esithi, Nqulani ngezwi elikhulu, ngokuba enguthixo; ingabi usacinga, ingabi uthe gu bucala, ingabi useluhambeni; ingabi mhlawumbi ulele, unokuba avuswe.

18:28b.1KI.018.028 Banqula ngezwi elikhulu ke, bazicenta ngokwesiko labo ngamakrele nangezikhali, lada latsaza igazi kubo.

18:29b.1KI.018.029 Kwathi emveni kwemini enkulu, baprofeta kwada kwesa ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa; akwabakho lizwi, akwabakho uphendulayo, akwabakho ubeke indlebe.

18:30b.1KI.018.030 Wathi uEliya ebantwini bonke, Sondelani kum apha. Basondela ke abantu bonke kuye. Wabuya wasakha isibingelelo sikaYehova esibe sidiliziwe.

18:31b.1KI.018.031 UEliya wathabatha amatye alishumi elinamabini, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaYakobi, eleza kuye ilizwi likaYehova lisithi, Liya kuba nguSirayeli igama lakho.

18:32b.1KI.018.032 Wakha ngamatye lawo isibingelelo egameni likaYehova, wenza umsele olingene iiseha ezimbini zembewu, ngeenxa zonke esibingelelweni.

18:33b.1KI.018.033 Wazilungisa iinkuni, wayityatya inkunzi entsha, wayibeka phezu kweenkuni.

18:34b.1KI.018.034 Wathi, Zalisani imiphanda ibe mine ngamanzi, niwagalele phezu kwedini elinyukayo, naphezu kweenkuni; wathi, Phindani okwesibini; baphinda okwesibini. Wathi, Phindani okwesithathu; baphinda okwesithathu.

18:35b.1KI.018.035 Ahamba amanzi ngeenxa zonke esibingelelweni; wawuzalisa nomsele ngamanzi.

18:36b.1KI.018.036 Kwathi ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa, wasondela uEliya umprofeti, wathi, Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, namhla makwaziwe ukuba nguwe uThixo kwaSirayeli; ukuba ndingumkhonzi wakho mna; ukuba ndizenze zonke ezi zinto ngelizwi lakho.

18:37b.1KI.018.037 Ndiphendule, Yehova, ndiphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguThixo, ukuba uyiguqulele kuwe intliziyo yabo.

18:38b.1KI.018.038 Wawa ke umlilo kaYehova, walidla idini elinyukayo, kwaneenkuni, kwanamatye, kwanomhlaba; namanzi abe esemseleni wawakhotha.

18:39b.1KI.018.039 Babona bonke abantu, bawa ngobuso, bathi, UYehova nguye uThixo, uYehova nguye uThixo.

18:40b.1KI.018.040 Wathi uEliya kubo, Babambeni abaprofeti bakaBhahali; makungasindi namnye kubo. Bababamba ke; uEliya wabahlisela emlanjaneni oyiKishon, wababulalela khona.

18:41b.1KI.018.041 Wathi uEliya kuAhabhi, Nyuka uye kudla, usele; ngokuba kuvakala ulwandile lwemvula enkulu.

18:42b.1KI.018.042 Wenyuka ke uAhabhi, waya kudla, waya kusela. Ke uEliya wenyuka waya encotsheni yeKarmele, waqondela emhlabeni, wabufaka ubuso bakhe phakathi kwamadolo akhe.

18:43b.1KI.018.043 Wathi kwindodana yakwakhe, Khawunyuke, ukhangele ngeli cala laselwandle. Yenyuka, yakhangela, yathi, Akukho nto. Wathi, Buya uye, izihlandlo zibe sixhenxe.

18:44b.1KI.018.044 Kwathi ke ngesesixhenxe, yathi, Ndibona ilifana elingangesandla somntu, liphuma elwandle. Wathi, Nyuka uye uthi kuAhabhi, Bopha, uhle, ingakuvingceli imvula.

18:45b.1KI.018.045 Kwathi ke kwakamsinya lasuka izulu lamnyama ngamafu nomoya; kwabakho imvula enkulu. Wakhwela uAhabhi, waya eYizereli.

18:46b.1KI.018.046 Safika ke isandla sikaYehova kuEliya; wazibhinqisa, wagidima phambi koAhabhi, kwada kwaba sekungeneni eYizereli.

19

19:1b.1KI.019.001 UAhabhi wamxelela uIzebhele konke awakwenzayo uEliya, nokubabulala kwakhe abaprofeti bonke ngekrele.

19:2b.1KI.019.002 UIzebhele wathuma umthunywa kuEliya, esithi, Mabenjenje oothixo kum baqokele ukwenjenje, ukuba andithanga, mayela ngeli xa ngomso, ndiwenze umphefumlo wakho ube njengomphefumlo womnye kubo.

19:3b.1KI.019.003 Wabona, wesuka wabambela ukusindisa umphefumlo wakhe. Waya eBher-shebha, eyeyakwaYuda, wayishiya khona indodana yakwakhe.

19:4b.1KI.019.004 Wahamba entlango uhambo lwemini enye, waya wahlala phantsi konwele, wazicelela ukuba afe, wathi, Kwanele ngoku, Yehova; wuthabathe umphefumlo wam, ngokuba ndingalungile ngaphezu koobawo.

19:5b.1KI.019.005 Wangqengqa ke, wozela, walala phantsi konwele. Kwabonakala khona isithunywa sezulu simshukumisa, sathi kuye, Vuka udle.

19:6b.1KI.019.006 Wakhangela, nanko kukho ngasentlokweni yakhe iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi. Wadla ke, wasela, wabuya walala.

19:7b.1KI.019.007 Sabuya isithunywa sikaYehova okwesibini, samshukumisa, sathi, Vuka udle, ngokuba uhambo lukhulu kuwe.

19:8b.1KI.019.008 Wavuka ke, wadla wasela, wahamba ngamandla oku kudla iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, wada wafika entabeni kaThixo eHorebhe.

19:9b.1KI.019.009 Waya emqolombeni apho, walala khona. Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye. Wathi kuye, Uyintoni na apha, Eliya?

19:10b.1KI.019.010 Wathi yena, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndasala ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.

19:11b.1KI.019.011 Wathi, Phuma, ume entabeni phambi koYehova. Nanko uYehova edlula, nomoya omkhulu onamandla uzikrazula iintaba, uziqhekeza iingxondorha phambi koYehova, engekho uYehova emoyeni lowo. Emveni komoya kwakho inyikima, akabakho uYehova enyikimeni.

19:12b.1KI.019.012 Emveni kwenyikima kwabakho umlilo. Akabakho uYehova emlilweni; emveni komlilo kwabakho ulwandile lokuphephezela okuhle.

19:13b.1KI.019.013 Kwathi, akuva uEliya, wabugqubuthela ubuso bakhe ngengubo yakhe enkulu, waphuma wema esangweni lomqolomba; nanko kufika kuye ilizwi, lisithi, Uyintoni na apha, Eliya?

19:14b.1KI.019.014 Wathi, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndisele ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.

19:15b.1KI.019.015 Wathi uYehova kuye, Hamba ubuye ngendlela yakho, uye entlango yaseDamasko, uye uthambise uHazayeli, abe ngukumkani kuma-Aram;

19:16b.1KI.019.016 uthambise uYehu, unyana kaNimshi, abe ngukumkani kumaSirayeli; uthambise uElisha, unyana kaShafati waseAbhele-mehola, abe ngumprofeti esikhundleni sakho.

19:17b.1KI.019.017 Kothi ke, athi osinde ekreleni likaHazayeli, abulawe nguYehu; athi osinde ekreleni likaYehu, abulawe nguElisha.

19:18b.1KI.019.018 Ke ndozishiyela kwaSirayeli isixhenxe samawaka, amadolo onke angaguqanga kuBhahali, imilomo yonke engamanganga.

19:19b.1KI.019.019 Wemka ke apho, wafumana uElisha, unyana kaShafati, elima; kukho ishumi elinesibini leedyokhwe phambi kwakhe; yena ke elunge neyeshumi elinesibini. UEliya wegqitha kuye, waphosa ingubo yakhe enkulu kuye.

19:20b.1KI.019.020 Wazishiya iinkabi, wabaleka emva koEliya, wathi, Makhe ndiye kwanga ubawo noma, ndikulandele ke. Wathi kuye, Hamba ubuye; ndikwenze ntoni na?

19:21b.1KI.019.021 Wabuya ke ekumlandeleni, wazithabatha iinkabi zedyokhwe enye, wabingelela ngazo, wayipheka inyama ngeempahla zeenkabi ezo, wanika abantu, badla. Wesuka ke, walandela uEliya, wamlungiselela.

20

20:1b.1KI.020.001 Ke kaloku uBhen-hadade, ukumkani wama-Aram, wayibutha yonke impi yakhe; enokumkani abangamashumi amathathu anababini, namahashe, neenqwelo zokulwa; wenyuka, wawungqinga umzi wakwaSamari, walwa nawo.

20:2b.1KI.020.002 Wathumela abathunywa kuAhabhi, ukumkani wakwaSirayeli, kuloo mzi, wathi kuye,

20:3b.1KI.020.003 Utsho uBhen-hadade ukuthi, Isilivere yakho negolide yakho yeyam, nabafazi bakho nabantwana bakho abo bahle ngabam.

20:4b.1KI.020.004 Waphendula ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Ngokwelizwi lakho, nkosi yam, kumkani, ndingowakho, nako konke endinako.

20:5b.1KI.020.005 Baphinda abathunywa, bathi, Utsho uBhen-hadade ukuthi, Ndathumela kuwe, ndisithi, ndinike isilivere yakho, negolide yakho, nabafazi bakho, nabantwana bakho;

20:6b.1KI.020.006 ukuba ndithe, mayela neli xa ngomso, ndabathumela kuwe abakhonzi bam, bayigquthagqutha indlu yakho, nezindlu zabakhonzi bakho: bothi, konke okuthandekayo emehlweni akho bakuthabathe ngesandla sabo, bemke nako.

20:7b.1KI.020.007 Ukumkani wakwaSirayeli wabiza onke amadoda amakhulu elizwe, wathi, Qondani ke nibone, ukuba lo ungxamele ububi; ngokuba ubethumele kum, ebiza abafazi bam, nabantwana bam, nesilivere yam, negolide yam; andamangala.

20:8b.1KI.020.008 Athi kuye onke amadoda amakhulu nabantu bonke, Musa ukuphulaphula, uze ungavumi.

20:9b.1KI.020.009 Wathi ke kubathunywa bakaBhen-hadade, Nothi enkosini yam ukumkani, Yonke into obumthume yona umkhonzi wakho ngokokuqala, ndoyenza; le nto yona andinakuyenza. Bemka ke abathunywa, babuya nelo lizwi.

20:10b.1KI.020.010 Wathumela uBhen-hadade kuye, wathi, Mabenjenje oothixo kum, baqokele ukwenjenje, ukuba luthe uthuli lwakwaSamari lwalingana ukuzalisa izandla zabantu bonke abandilandelayo.

20:11b.1KI.020.011 Waphendula ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Yithini, Makangaqhayisi osabhinqa ikrele, njengoselelikhulula.

20:12b.1KI.020.012 Kwathi, akuliva elo zwi uBhen-hadade, akubon’ ukuba uyasela, yena nokumkani abo eminqubeni, wathi kubakhonzi bakhe, Yakhani uluhlu. Balwakha ke uluhlu kuloo mzi.

20:13b.1KI.020.013 Kwabonakala mprofeti uthile, wafika kuAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Uyibonile na yonke le ngxokolo ingakanana? Yabona ndiyinikele esandleni sakho namhla; wazi ukuba ndinguYehova.

20:14b.1KI.020.014 Wathi ke uAhabhi, Ngabani na? Wathi yena, Utsho uYehova ukuthi, Ngamadodana abathetheli bamazwe. Wathi, Ngubani na oya kuqala ukulwa? Wathi, Nguwe lo.

20:15b.1KI.020.015 Wawabala ke amadodana abathetheli bamazwe, aba ngamakhulu amabini anamanci mathathu anamabini; emva kwawo wababala bonke abantu; bonke oonyana bakaSirayeli baba ngamawaka asixhenxe.

20:16b.1KI.020.016 Baphuma emini enkulu. Ke kaloku uBhen-hadade ubesela, enxila eminqubeni, yena nookumkani abamashumi mathathu anababini, ookumkani abo bamncedisayo.

20:17b.1KI.020.017 Aphuma kuqala amadodana abathetheli bamazwe. Wathumela uBhen-hadade, bamxelela, besithi, Kuphume amadoda kwaSamari.

20:18b.1KI.020.018 Wathi, Nokuba aphumele uxolo, wabambeni ehleli; nokuba aphumele ukulwa, wabambeni ehleli.

20:19b.1KI.020.019 Aphuma ke la madodana abathetheli bamazwe kuwo umzi, nempi ebiwalandela.

20:20b.1KI.020.020 Yaba ngulowo wabulala umntu; asaba ke ama-Aram; amaSirayeli awasukela. Wasinda uBhen-hadade ukumkani wakwa-Aram ngehashe, enabamahashe.

20:21b.1KI.020.021 Waphuma ukumkani wakwaSirayeli, wawaxabela amahashe neenqwelo zokulwa; waxabela phakathi kwama-Aram ngoxabelo olukhulu.

20:22b.1KI.020.022 Wafika umprofeti lowa kukumkani wakwaSirayeli, wathi kuye, Hamba uye kuzomeleza, ukuqonde ukubone okwenzayo; ngokuba ukuvela komnyaka, ukumkani wakwa-Aram uya kunyuka alwe nawe.

20:23b.1KI.020.023 Ke kaloku abakhonzi bokumkani bakwa-Aram bathi kuye, Ngoothixo basezintabeni oothixo babo, kuko le nto bomeleleyo kunathi; masilwe nabo ke emathafeni, ukuba asisayi komelela na kunabo.

20:24b.1KI.020.024 Yenza le nto: bashenxise ookumkani aba, elowo endaweni yakhe, umise amabamba ezikhundleni zabo;

20:25b.1KI.020.025 uzibalele impi engangempi le iwileyo kuwe, amahashe abe ngangaloo mahashe, iinqwelo zokulwa zibe ngangezo nqwelo zokulwa, silwe nabo ke emathafeni, ukuba asisayi komelela na kunabo. Waliphulaphula izwi labo, wenjenjalo.

20:26b.1KI.020.026 Kwathi, ekuveleni komnyaka, wawabala uBhen-hadade ama-Aram, wenyuka waya kulwa namaSirayeli eAfeki.

20:27b.1KI.020.027 Babalwa oonyana bakaSirayeli, baxhotyiswa baya kubahlangabeza. Bamisa oonyana bakaSirayeli phambi kwabo, benjengemihlanjana emibini yeebhokhwe; ama-Aram alizalisa ilizwe.

20:28b.1KI.020.028 Wafika umfo wakwaThixo, wathi kukumkani wamaSirayeli, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ethe ama-Aram, Nguthixo wasezintabeni uYehova, akanguthixo wasezintilini, ndiya kuyinikela esandleni sakho yonke le ngxokolo ingaka, nazi ukuba ndinguYehova.

20:29b.1KI.020.029 Yamisa ke, ikhangelene, imihla esixhenxe. Kwathi ngomhla wesixhenxe, yadibana. Oonyana bakaSirayeli babulala kuma-Aram ikhulu lamawaka kumqikela ngamini-nye.

20:30b.1KI.020.030 Aseleyo asabela eAfeki, ela phakathi komzi. Kwawa udonga phezu kwamawaka angamashumi amabini anamawaka asixhenxe amadoda aseleyo. Wasaba uBhen-hadade, wangena kuloo mzi, wathungela amagumbi.

20:31b.1KI.020.031 Bathi kuye abakhonzi bakhe, Khawukhangele, sivile ukuba ookumkani bendlu yakwaSirayeli ngookumkani abanenceba. Makhe sibeke iingubo ezirhwexayo emanqeni, neentambo ezintlokweni zethu, siphume siye kukumkani wamaSirayeli; mhlawumbi wowusindisa umphefumlo wakho.

20:32b.1KI.020.032 Babhinqa ke iingubo ezirhwexayo emanqeni, babeka iintambo ezintlokweni zabo, baya kukumkani wakwaSirayeli, bathi, Umkhonzi wakho uBhen-hadade uthi, Khawusindise umphefumlo wam. Wathi yena, Usaphilile na? Ngumzalwana wam.

20:33b.1KI.020.033 Loo madoda ke athi lithamsanqa, angxamisa ukumrhwebesha, ukuba elo lelakhe na, athi, Ngumzalwana wakho uBhen-hadade. Wathi yena, Yiyani kumthabatha.

20:34b.1KI.020.034 Waphuma uBhen-hadade weza kuye; wamkhwelisa enqwelweni. Wathi uBhen-hadade, kuye, Imizi awayithabathayo ubawo kuyihlo ndiya kuyibuyisa; uzenzele izitrato eDamasko, njengoko wazenzayo ubawo kwaSamari. Wathi uAhabhi, Ndiya kukundulula nalo mnqophiso. Wamenzela ke umnqophiso, wamndulula.

20:35b.1KI.020.035 Ke kaloku indoda ethile yakoonyana babaprofeti yathi kummelwane wayo ngelizwi likaYehova, Khawundibethe. Akavuma loo mntu ukuyibetha.

20:36b.1KI.020.036 Yathi kuye, Ngenxa yokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova, uyabona, ekumkeni kwakho kum uya kubulawa yingonyama. Wemka kuyo; yamfumana ingonyama, yambulala.

20:37b.1KI.020.037 Yafumana mntu wumbi, yathi, Khawundibethe, Wayibetha ke loo mntu, wayibetha wayilimaza.

20:38b.1KI.020.038 Wahamba umprofeti lowo, wamlinda ukumkani endleleni, wazenza mntu wumbi ngokubopha iqhiya emehlweni.

20:39b.1KI.020.039 Kwathi, akubona ukuba uyadlula ukumkani, wamemeza kukumkani, wathi, Umkhonzi wakho lo waphuma waya emfazweni phakathi; nanko kutyeka indoda, yeza nomntu kum, yathi, Gcina lo mntu; ukuba uthe akabakho, umphefumlo wakho woba sesikhundleni somphefumlo wakhe, okanye wohlawula ngetalente yesilivere.

20:40b.1KI.020.040 Akuba esebenza umkhonzi wakho lo apha naphaya, wesuka wathi shwaka. Wathi ke ukumkani wakwaSirayeli kuye, Sinjalo isigwebo sakho; umise wagqiba.

20:41b.1KI.020.041 Wakhawuleza, wayisusa iqhiya emehlweni akhe. Wamazi ukumkani wakwaSirayeli, ukuba ungowasebaprofetini.

20:42b.1KI.020.042 Wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yokundulula kwakho esandleni indoda endayisingela phantsi, umphefumlo wakho uya kuba sesikhundleni somphefumlo wayo, nabantu bakho babe sesikhundleni sabantu bayo.

20:43b.1KI.020.043 Waya ukumkani wakwaSirayeli endlwini yakhe, ubuso ebuthe nkwa, ejalile, wafika kwaSamari.

21

21:1b.1KI.021.001 Kwathi emveni kwezo zinto, uNabhoti waseYizereli enesidiliya esiseYizereli, ngasebhotweni lika-Ahabhi ukumkani wakwaSamari,

21:2b.1KI.021.002 wathetha uAhabhi kuNabhoti, wathi, Ndinike isidiliya sakho, ukuba sibe ngumyezo wemifuno; ngokuba sisondelelene nendlu yam; ndokunika isidiliya esilungileyo kuneso esikhundleni saso; ke ukuba kuthe kwalunga emehlweni akho, ndokunika imali esilingeneyo.

21:3b.1KI.021.003 Wathi uNabhoti kuAhabhi, Makube lee kum ngenxa kaYehova, ukuba ndikunike ilifa loobawo.

21:4b.1KI.021.004 UAhabhi waya endlwini yakhe ebuthe nkwa ubuso, ejalile, lilizwi abelithethile kuye uNabhoti waseYizereli, wathi, Andiyi kukunika ilifa loobawo. Waya walala esingqengqelweni, wabheka phaya; akadla nokudla.

21:5b.1KI.021.005 Wafika uIzebhele umkakhe kuye, wathi kuye, Yini na ukuba usangane kangaka, ungadli nokudla?

21:6b.1KI.021.006 Wathi kuye, Kungokuba ndithethe kuNabhoti waseYizereli, ndathi kuye, Ndinike isidiliya sakho ngemali; okanye ukuba uyavuma, ndokunika esinye isidiliya esikhundleni saso; wathi, Andiyi kukunika isidiliya sam.

21:7b.1KI.021.007 Wathi uIzebhele umkakhe kuye, Wena, abuphethwe nguwe na ngoku ubukumkani bakwaSirayeli? Vuka udle ukudla, ichwayithe intliziyo yakho; ndokunika mna isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.

21:8b.1KI.021.008 Wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi, wazitywina ngomsesane wakhe, wazithumela ezo ncwadi kumadoda amakhulu nakubanumzana ababekuloo mzi wakhe, ababehleli noNabhoti.

21:9b.1KI.021.009 Wabhala kwezo ncwadi, wathi, Memani uzilo lokudla, nimbeke uNabhoti phambi kwabantu;

21:10b.1KI.021.010 nibeke amadoda amabini angamatshijolo phambi kwakhe, angqine ngaye, athi, Wena uthuke uThixo nokumkani. Nize nimkhuphele phandle, nimgibisele ngamatye, afe.

21:11b.1KI.021.011 Amadoda omzi wakhe, amadoda amakhulu nabanumzana ababehleli kuloo mzi wakhe, benza njengoko abebathumele ngako uIzebhele, njengoko kwakubhaliwe ezincwadini abezithumele kubo.

21:12b.1KI.021.012 Bamema uzilo lokudla, bambeka uNabhoti phambi kwabantu.

21:13b.1KI.021.013 Kwafika loo madoda mabini angamatshijolo, ahlala phambi kwakhe. Amadoda lawo angamatshijolo angqina ngaye uNabhoti phambi kwabantu, athi, UNabhoti uthuke uThixo nokumkani. Bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye, wafa.

21:14b.1KI.021.014 Bathumela ke kuIzebhele, bathi, UNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa.

21:15b.1KI.021.015 Kwathi, akuva uIzebhele ukuba uNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa, wathi uIzebhele kuAhabhi, Suka, usithabathe isidiliya sikaNabhoti waseYizereli, abengavumi ukukunika ngemali; ngokuba uNabhoti akasekho, ufile.

21:16b.1KI.021.016 Kwathi, akuva uAhabhi ukuba uNabhoti ufile, wesuka uAhabhi, wehla, waya kusithabatha isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.

21:17b.1KI.021.017 Lafika ilizwi likaYehova kuEliya waseTishbhi, lisithi,

21:18b.1KI.021.018 Suka uhle, uye kukhawulela uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli okwaSamari; nanko esesidiliyeni sikaNabhoti, ehle waya kusithabatha.

21:19b.1KI.021.019 Uze uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ubulele na, wathabatha na? Uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Endaweni ezixhaphele kuyo izinja igazi likaNabhoti, ziya kulixhaphela khona izinja igazi lakho, wena lo.

21:20b.1KI.021.020 Wathi uAhabhi kuEliya, Undifumene na, lutshaba lwam? Wathi yena, Ndikufumene; ngenxa enokuba uzithengisele ukwenza okubi emehlweni kaYehova,

21:21b.1KI.021.021 uyabona, ndikuzisela ububi, ndiwatshayele amavela-mva akho, ndiyinqamle kwa-Ahabhi yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli.

21:22b.1KI.021.022 Ndoyenza indlu yakho ibe njengendlu kaYarobheham unyana kaNebhati, nanjengendlu kaBhahesha unyana ka-Ahiya, ngenxa yokuqumbisa ondiqumbise ngako, wawonisa amaSirayeli.

21:23b.1KI.021.023 Kananjalo wathetha uYehova ngoIzebhele, wathi, UIzebhele uya kudliwa zizinja emseleni wongqameko lwaseYizereli.

21:24b.1KI.021.024 Owakwa-Ahabhi ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu.

21:25b.1KI.021.025 (Kodwa bekungekho unjengoAhabhi, owazithengisela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, owaxhokonxwayo nguIzebhele umkakhe.

21:26b.1KI.021.026 Wenza ngokwamasikizi kunene, ngokulandela izithixo ezizizigodo, njengoko enza ngako ama-Amori, awawagqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.)

21:27b.1KI.021.027 Kwathi, akuweva uAhabhi loo mazwi kaEliya, wazikrazula iingubo zakhe, wabeka iingubo ezirhwexayo enyameni yakhe, wazila ukudla, walala ngeengubo ezirhwexayo, wahamba kuhle.

21:28b.1KI.021.028 Lafika ilizwi likaYehova kuEliya waseTishbhi, lisithi, Uyakubona na, ukuzithoba kwakhe uAhabhi ebusweni bam?

21:29b.1KI.021.029 Ngenxa enokuba ezithobile ebusweni bam, andiyi kubuzisa ububi emihleni yakhe; ndiya kuyizisela ububi indlu yakhe ngemihla yonyana wakhe.

22

22:1b.1KI.022.001 Kwahlalwa iminyaka yamithathu, kungekho mfazwe phakathi kwama-Aram namaSirayeli.

22:2b.1KI.022.002 Kwathi ngomnyaka wesithathu wehla uYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, waya kukumkani wakwaSirayeli.

22:3b.1KI.022.003 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kubakhonzi bakhe, Anazi na ukuba iRamoti yaseGiliyadi yeyethu, ukanti sithe cwaka thina; asiyihluthi esandleni sokumkani wakwa-Aram?

22:4b.1KI.022.004 Wathi kuYehoshafati, Wohamba na nam, silwe neRamoti yaseGiliyadi? Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Ndinjengawe; abantu bam banjengabantu bakho, amahashe am anjengamahashe akho.

22:5b.1KI.022.005 Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuze ilizwi likaYehova namhla.

22:6b.1KI.022.006 Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, bekumakhulu amane amadoda, wathi kubo, Ndiye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka; iNkosi yoyinikela esandleni sokumkani.

22:7b.1KI.022.007 Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye?

22:8b.1KI.022.008 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye, esingabuzisa ngayo kuYehova; ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi: nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani.

22:9b.1KI.022.009 Waza ukumkani wakwaSirayeli wabiza umbusi, wathi, Khawulezisa uMikaya unyana kaImla, eze apha.

22:10b.1KI.022.010 Ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, wahlala elowo etroneni yakhe, evethe iingubo zakhe, esandeni, ekungeneni esangweni lakwaSamari; bonke abaprofeti beprofeta phambi kwabo.

22:11b.1KI.022.011 UZedekiya, unyana kaKenahana, wazenzela iimpondo zesinyithi, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Uya kuwangqula ngazo ezi ama-Aram, ude uwagqibe.

22:12b.1KI.022.012 Bonke abaprofeti benjenjalo ukuprofeta, besithi, Nyuka, uye eRamoti yaseGiliyadi, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.

22:13b.1KI.022.013 Ke umthunywa, obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; izwi lakho makhe libe njengelizwi labo, uthethe okuhle.

22:14b.1KI.022.014 Wathi uMikaya, Ehleli nje uYehova, athe wakuthetha kum uYehova, ndothetha khona.

22:15b.1KI.022.015 Wafika kukumkani. Wathi ukumkani kuye, Mikaya, siye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, siyeke, kusini na? Wathi kuye, Nyuka, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.

22:16b.1KI.022.016 Wathi ukumkani kuye, Makube zizihlandlo ezingaphi na ndikufungisa, ukuba ungandixeleli into engeyiyo inyaniso egameni likaYehova?

22:17b.1KI.022.017 Wathi yena, Ndibone amaSirayeli onke elusali ezintabeni, njengempahla emfutshane engenamalusi. Wathi uYehova, Aba abanankosi; mababuyele elowo endlwini yakhe enoxolo.

22:18b.1KI.022.018 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndibe ndingatshongo na, ukuthi kuwe, akayi kuprofeta okuhle ngam, woprofeta ububi bodwa?

22:19b.1KI.022.019 Wathi yena, Ngako oko, live ilizwi likaYehova: Ndimbonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngakuye, ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe;

22:20b.1KI.022.020 wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wenjenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha.

22:21b.1KI.022.021 Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna. Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na?

22:22b.1KI.022.022 Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Uya kumlukuhla, ufeze; phuma uye, wenjenjalo.

22:23b.1KI.022.023 Uyabona kaloku, uYehova ungenise umoya wobuxoki emlonyeni wabo baprofeti bakho bonke; uYehova uthethe okubi ngawe.

22:24b.1KI.022.024 Wesuka uZedekiya unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Ugqithe phi na kum uMoya kaYehova, ukuba aye kuthetha kuwe?

22:25b.1KI.022.025 Wathi uMikaya, Khangela, uya kubona ngaloo mini, uya kuza uthungele amagumbi, uzimela.

22:26b.1KI.022.026 Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Mthabathe uMikaya, ubuye naye, umse kuAmon umphathi womzi, nakuYowashe unyana wokumkani;

22:27b.1KI.022.027 uthi, Utsho ukumkani ukuthi, Mfakeni entolongweni lo, nimdlise isonka soxiniweyo, namanzi oxiniweyo, ndide ndibuye ndinoxolo.

22:28b.1KI.022.028 Wathi uMikaya, Ukuba ubuye wabuya unoxolo, woba uYehova akathethanga ngam. Wathi, Yivani, nonke zizwe ziphela.

22:29b.1KI.022.029 Wenyuka ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, baya eRamoti yaseGiliyadi.

22:30b.1KI.022.030 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndiya kuzenza mntu wumbi, ndingene ekulweni; yambatha iingubo zakho wena. Wazenza mntu wumbi ukumkani wakwaSirayeli, wangena ekulweni.

22:31b.1KI.022.031 Ke ukumkani wakwa-Aram wabawisela umthetho abathetheli bakhe beenqwelo zokulwa abamashumi mathathu anababini, wathi, Ize ningalwi nomnci nane nomkhulu; yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.

22:32b.1KI.022.032 Kwathi, bakumbona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi bona, Inene, ngukumkani wakwaSirayeli; batyeka ke, beza kulwa naye. Wakhala uYehoshafati.

22:33b.1KI.022.033 Kwathi, bakubona abathetheli beenqwelo zokulwa ukuba asinguye ukumkani wakwaSirayeli, babuya ekumsukeleni.

22:34b.1KI.022.034 Wathi umntu watyeda isaphetha, efunisela, watsho kukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo. Wathi yena kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undise ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe.

22:35b.1KI.022.035 Ukulwa kwenyuka loo mini. Ukumkani wazimisa enqwelweni phambi kwama-Aram, wafa ngokuhlwa; igazi lenxeba lakhe lankcenkceza, laya esiswini senqwelo.

22:36b.1KI.022.036 Kwavakala kukhwazwa emkhosini ukutshona kwelanga, kusithiwa, Elowo emzini wakhe! Elowo ezweni lakhe!

22:37b.1KI.022.037 Wafa ke ukumkani, waziswa kwaSamari. Bamngcwabela ukumkani kwaSamari.

22:38b.1KI.022.038 Yahlanjwa inqwelo yokulwa echibini lakwaSamari; izinja zalixhapha igazi lakhe (ehlamba apho amahenyukazi), ngokwelizwi likaYehova abelithethile.

22:39b.1KI.022.039 Ezinye izinto zika-Ahabhi, nako konke awakwenzayo, nendlu awayakhayo ngeempondo zeendlovu, nemizi yonke awayakhayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? Walala uAhabhi kooyise;

22:40b.1KI.022.040 uAhaziya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

22:41b.1KI.022.041 UYehoshafati, unyana ka-Asa, waba ngukumkani kwaYuda ngomnyaka wesine ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli.

22:42b.1KI.022.042 UYehoshafati ube minyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi.

22:43b.1KI.022.043 Wahamba ngeendlela zonke zika-Asa uyise, akatyeka kuzo; esenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.

22:44b.1KI.022.044 UYehoshafati wahlalelana ngoxolo nokumkani wakwaSirayeli.

22:45b.1KI.022.045 Ezinye izinto zikaYehoshafati, nobugorha bakhe awabenzayo, nokulwa kwakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

22:46b.1KI.022.046 Amasalela amang’awu, awasalayo ngemihla kayise uAsa, wawatshayela ezweni.

22:47b.1KI.022.047 Bekungekho kumkani oko kwaEdom. Bekulawula ibamba.

22:48b.1KI.022.048 UYehoshafati wenza iinqanawa zaseTarshishe zokuya kuthabatha igolide kwaOfire. Azaya, ngokuba iinqanawa ezo zaphuka e-Etsiyon-gebhere.

22:49b.1KI.022.049 Waza wathi uAhaziya, unyana ka-Ahabhi, kuYehoshafati, Abakhonzi bam mabahambe nabakhonzi bakho ngeenqanawa. Akavuma uYehoshafati.

22:50b.1KI.022.050 UYehoshafati walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide uyise. UYehoram unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

22:51b.1KI.022.051 UAhaziya, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari ngomnyaka weshumi elinesixhenxe kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, waba neminyaka emibini engukumkani kwaSirayeli.

22:52b.1KI.022.052 Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kayise, nangendlela yonina, nangendlela kaYarobheham unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli.

22:53b.1KI.022.053 Wakhonza uBhahali, waqubuda kuye, wamqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli, njengako konke awakwenzayo uyise.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. 1 Kings (Xhosa). 1 Kings (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C394-4