Ruth (Xhosa)

Ruth (Xhosa)

1

1:1b.RUT.001.001 Ke kaloku kwathi ngemihla yokulawula kwabagwebi, kwabakho indlala elizweni. Yahamba indoda yaseBhetelehem yakwaYuda, yaza yaphambukela elizweni lakwaMowabhi, yona nomkayo, noonyana bayo bobabini.

1:2b.RUT.001.002 Ke igama laloo ndoda lalinguElimeleki, igama lomkayo linguNahomi; amagama oonyana bayo babengooMalon noKiliyon, bengamaEfrata aseBhetelehem yakwaYuda. Baya ke elizweni lakwaMowabhi, baba khona.

1:3b.RUT.001.003 Wafa uElimeleki indoda kaNahomi; washiywa ke yena noonyana bakhe bobabini.

1:4b.RUT.001.004 Bazeka abafazi abangamaMowabhikazi; igama lomnye lalinguOrpa, igama lomnye lalinguRute; bahlala khona iminyaka eseshumini.

1:5b.RUT.001.005 Bafa kananjalo bobabini ooMalon noKiliyon; washiywa ke loo mfazi ngoonyana bakhe bobabini nayindoda yakhe.

1:6b.RUT.001.006 Wesuka yena noomolokazana bakhe, ebuya elizweni lakwaMowabhi; ngokuba weva eselizweni lakwaMowabhi, ukuba uYehova ubavelele abantu bakhe ngokubanika isonka.

1:7b.RUT.001.007 Waphuma kuloo ndawo abekuyo, enoomolokazana bakhe bobabini; wahamba ngendlela ebuyela ezweni lakwaYuda.

1:8b.RUT.001.008 Wathi uNahomi koomolokazana bakhe bobabini, Hambani, nibuyele elowo endlwini yonina; uYehova makanenzele inceba, njengoko nenze ngako kubafi nakum.

1:9b.RUT.001.009 UYehova makaninike nifumane indawo yokuphumla, elowo endlwini yendoda yakhe. Wabanga; baliphakamisa ilizwi labo, balila.

1:10b.RUT.001.010 Bathi kuye, Hayi, siya kubuyela nawe kubantu bakowenu.

1:11b.RUT.001.011 Wathi uNahomi, Buyani, zintombi zam; kungani na ukuba nihambe nam? Ndisenoonyana yini na embilinini wam, ukuze babe ngamadoda kuni?

1:12b.RUT.001.012 Buyani, zintombi zam; hambani, ngokuba sendikwaluphalele ukuba nendoda. Khona ukuba ndibe ndisithi, Ndisenethemba, nokuba bendithe ndaba ngonendoda ngobu busuku, nokuba bendithe ndazala oonyana,

1:13b.RUT.001.013 beniya kuthi ngenxa yoko nilinde bade bakhule, yini na? Beniya kuthi ngenxa yoko nizibambe ningabi namadoda, yini na? Hayi, zintombi zam; ngokuba kukrakra kunene kum ngenxa yenu, kuba isandla sikaYehova siphumelene nam.

1:14b.RUT.001.014 Baliphakamisa ilizwi labo, babuya balila. UOrpa wamanga uninazala; ke yena uRute wanamathela kuye.

1:15b.RUT.001.015 Wathi yena, Uyabona, umkhuluwakazi wakho ubuyele kubantu bakowabo, nakoothixo bakowabo; buya nawe, ulandele umkhuluwakazi wakho.

1:16b.RUT.001.016 Wathi uRute, Musa akundibongoza ngokuthi mandikushiye, ndibuye, ndingakulandeli; ngokuba apho uya khona, ndiya kuya nam; apho uya kuthi vu khona, ndiya kuthi vu khona; abantu bakowenu baya kuba ngabantu bam, uThixo wakho abe nguThixo wam;

1:17b.RUT.001.017 apho ufela khona, ndiya kufela khona, ndingcwatyelwe khona. Makenjenje uYehova kum, aphinde ukwenjenje: kukufa kodwa okuya kundahlula nawe.

1:18b.RUT.001.018 Wabona ukuba uzimisele ukuhamba naye, wayeka ukuthetha kuye.

1:19b.RUT.001.019 Bahamba ke bobabini, bada bafika eBhetelehem. Kwathi, xa bangenayo eBhetelehem, wazamazama wonke umzi ngenxa yabo, bathi, NguNahomi na lo?

1:20b.RUT.001.020 Wathi kubo, Musani ukuthi ndinguNahomi; yithini ndinguMara, ngokuba uSomandla undenze ndakrakra kunene.

1:21b.RUT.001.021 Ndemka mna ndizele; ke uYehova undibuyisa ndilambatha. Yini na ukuba nithi ndinguNahomi; uYehova engqinile nje ngam, uSomandla endenzele ububi nje.

1:22b.RUT.001.022 Wabuya ke uNahomi enoRute umMowabhikazi, umolokazana wakhe, owabuya elizweni lakwaMowabhi; bafika bona eBhetelehem ekuqalekeni kokuvunwa kwerhasi.

2

2:1b.RUT.002.001 Ke kaloku uNahomi ebenesihlobo sendoda yakhe, indoda esisityebi emzalwaneni kaElimeleki; igama layo libe linguBhohazi.

2:2b.RUT.002.002 Wathi uRute umMowabhikazi kuNahomi, Makhe ndiye entsimini, ndibhikice izikhwebu emva kwalowo ndiya kubabalwa nguye. Wathi kuye, Hamba, ntombi yam.

2:3b.RUT.002.003 Wahamba waya, wabhikica entsimini emva kwabavuni. Ithamsanqa lakhe lawela phezu kwesahlulo sentsimi kaBhohazi, obengowomzalwane kaElimeleki.

2:4b.RUT.002.004 Wathi gqi uBhohazi, evela eBhetelehem, wathi kubavuni, UYehova makabe nani. Bathi kuye, UYehova makakusikelele.

2:5b.RUT.002.005 Wathi uBhohazi kwindodana yakhe ephethe abavuni, Yekabani na le nkazana?

2:6b.RUT.002.006 Yaphendula indodana ephethe abavuni, yathi. Yinkazana engumMowabhikazi, efike noNahomi, bevela elizweni lakwaMowabhi;

2:7b.RUT.002.007 yathi ke, Makhe ndibhikice, ndibuthe phakathi kwezithungu emva kwabavuni; yeza ke, yema kwakusasa kwada kwangoku; ukuhlala kwayo endlwini kukancinane.

2:8b.RUT.002.008 Wathi uBhohazi kuRute, Uyeva na, ntombi yam? Musa ukuya kubhikica ntsimini yimbi; kananjalo uze ungadluli apha; namathela wenjenje kumthinjana wam lo;

2:9b.RUT.002.009 amehlo akho makabe sentsimini oyivunayo wona, uwulandele; yabona, abafana bakwam ndibawisele umthetho wokuba bangakuchukumisi; xa unxaniweyo, yiya ezityeni, usele into ekhiwe ngabafana.

2:10b.RUT.002.010 Wawa ngobuso bakhe, waqubuda emhlabeni, wathi kuye, Kutheni na ukuba ndibabalwe nguwe, undibuke, ndiyinkazana yolunye uhlanga nje?

2:11b.RUT.002.011 Waphendula uBhohazi, wathi kuye, Ndiyixelelwe kakuhle yonke into oyenzileyo kunyokozala, emva kokufa kwendoda yakho; ukuba ushiye uyihlo nonyoko, nelizwe owazalelwa kulo, weza ebantwini obungabazi ngaphambili.

2:12b.RUT.002.012 UYehova makakubuyekeze ukwenza kwakho, uzaliseke umvuzo wakho ovela kuYehova uThixo kaSirayeli, oze wazimela phantsi kwamaphiko akhe wena.

2:13b.RUT.002.013 Wathi yena, Mandibabalwe nguwe, nkosi yam; ngokuba undithuthuzele, ngokuba uthethe kakuhle nomkhonzazana wakho, ndingenjengomnye wabakhonzazana bakho nje.

2:14b.RUT.002.014 Wathi uBhohazi kuye, Ngexesha lokudla sondela apha, udle isonka, uncinde iviniga ngeqhekeza lakho. Wahlala phantsi ngasecaleni labavuni. Wamnika ikhweba; wadla, wahlutha, washiya.

2:15b.RUT.002.015 Wesuka ke waya kubhikica; uBhohazi waluwisela umthetho ulutsha olulolwakhe, wathi, Makabhikice naphakathi kwezithungu, ningamdanisi;

2:16b.RUT.002.016 nimrholele nokumrholela inxenye ezithungwini, nishiye, abhikice, ningamkhalimeli.

2:17b.RUT.002.017 Wabhikica entsimini leyo kwada kwahlwa; wayibhula into abeyibhikicile, yanga yiefa yerhasi.

2:18b.RUT.002.018 Wathwala, waya ekhaya; wayibona uninazala into ayibhikicileyo; wakurhola, wamnika abekushiyile akuba ehluthi.

2:19b.RUT.002.019 Wathi uninazala kuye, Ubhikice phi na namhla? Ubusebenza phi na? Makasikelelwe okubukileyo wena. Wamxelela uninazala umntu abesebenza kuye, wathi, Igama lendoda endisebenze kuyo namhla nguBhohazi.

2:20b.RUT.002.020 Wathi uNahomi kumolokazana wakhe, Makasikelelwe yena nguYehova, ongayekelelanga ukwenza inceba yakhe kwabaphilileyo nakwabafileyo. Wathi uNahomi kuye, Indoda leyo iyalamana nathi; ingowabakhululi bethu.

2:21b.RUT.002.021 Wathi uRute umMowabhikazi, Kananjalo ithe yona kum, Uze unamathele kulutsha olulolwam, lude lulugqibe lonke uvuno olulolwam.

2:22b.RUT.002.022 Wathi uNahomi kuRute umolokazana wakhe, Kulungile, ntombi yam, ukuba uphume nomthinjana wakhe, ukuze ungafikelwa mntu ukwenye intsimi.

2:23b.RUT.002.023 Wanamathela kumthinjana kaBhohazi, wabhikica, kwada kwagqitywa ukuvunwa kwerhasi nokuvunwa kwengqolowa; wahlala noninazala.

3

3:1b.RUT.003.001 Wathi uNahomi uninazala kuye, Ntombi yam, ndingakufuneli na ukuphumla okokulungela?

3:2b.RUT.003.002 Kaloku akasihlobo sethu na uBhohazi, lowo umthinjana ubunawo? Nanko esela irhasi ngobu busuku esandeni.

3:3b.RUT.003.003 Zihlambe, uthambise, unxibe iingubo zakho, uhle uye esandeni. Uze ungazazisi endodeni leyo, ide igqibe ukudla nokusela.

3:4b.RUT.003.004 Wothi, ukulala kwayo phantsi, uqonde indawo eye kulala kuyo, uye uyityhile ingubo ngasezinyaweni zayo, ulale phantsi; yokuxelela ke yona into owoyenza.

3:5b.RUT.003.005 Wathi kuye, Yonke into oyithethayo ndoyenza.

3:6b.RUT.003.006 Wehla ke waya esandeni, wenza ngako konke abemwisele umthetho ngako uninazala.

3:7b.RUT.003.007 Wadla uBhohazi, wasela, yachwayitha intliziyo yakhe; waya walala phantsi ekupheleni kwentlaba. Waya ke ecotha, wamtyhila ingubo ngasezinyaweni zakhe, walala phantsi.

3:8b.RUT.003.008 Kwathi phakathi kobusuku, yothuka indoda leyo, yaguquka, yabona kulele inkazana ngasezinyaweni zayo.

3:9b.RUT.003.009 Yathi, Ungubani? Wathi, NdinguRute, umkhonzazana wakho; twabulula isondo lengubo yakho phezu komkhonzazana wakho, ngokuba ungumkhululi wena.

3:10b.RUT.003.010 Yathi, Usikelelwe nguYehova, ntombi yam. Inceba yakho yamva nje ingaphezu kweyokuqala, ungalandelanga madodana nje, nokuba ngasweleyo nokuba nganobutyebi.

3:11b.RUT.003.011 Kaloku ke, ntombi yam, musa ukoyika; konke okuthethileyo ndokwenzela; ngokuba bonke abantu bomzi wakowethu bayazi ukuba uyinkazana enesidima.

3:12b.RUT.003.012 Ewe! Kuyinene, ndingumkhululi inyaniso. Ke kukho umkhululi osondeleyo kuwe kunam.

3:13b.RUT.003.013 Lala ngobu busuku; kothi kusasa, ukuba uthe wakukhulula ngentlawulelo, kulunge, makakukhulule ngentlawulelo; ke ukuba akathanga akunanze ukukukhulula ngentlawulelo, ndokukhulula ngentlawulelo mna, ehleli nje uYehova. Lala kude kuse.

3:14b.RUT.003.014 Walala ke ngasezinyaweni zakhe kwada kwasa; wavuka bengekanakanani abantu. Yathi, Makungaziwa ukuba bekuze inkazana esandeni.

3:15b.RUT.003.015 Yathi, Ethe ingubo yakho yokwaleka, ukhongozele. Wakhongozela ke ngayo. Yalinganisa izilinganiso zerhasi ezithandathu, yamthwalisa; wagoduka.

3:16b.RUT.003.016 Waya kuninazala, wathi yena, Utheni, ntombi yam? Wamxelela konke emenzele khona indoda leyo.

3:17b.RUT.003.017 Wathi, Indinike ezi zilinganiso zerhasi; ngokuba yayisithi, Musa ukuya kunyokozala ulambatha.

3:18b.RUT.003.018 Wathi, Hlala, ntombi yam, ude wazi okuya kuhla; kuba indoda leyo ayiyi kuphumla, ingakuphelisanga oku namhla.

4

4:1b.RUT.004.001 Ke kaloku wenyuka uBhohazi, waya esangweni lomzi, wahlala khona; nanko egqitha umkhululi lowa abethetha yena uBhohazi; wathi, Wa, Nantsi, khawuphambukele apha, uhlale phantsi.

4:2b.RUT.004.002 Waphambuka, wahlala. Wathabatha ishumi lamadoda kumadoda amakhulu omzi, wathi, Hlalani apha; ahlala ke.

4:3b.RUT.004.003 Wathi kumkhululi lowo, Isahlulo somhlaba obungowomzalwana wethu uElimeleki, uthengise ngaso uNahomi, obuye elizweni lakwaMowabhi;

4:4b.RUT.004.004 ndathi ke mna, mandivule indlebe yakho, ndithi, Wuthenge ngaphambi kwaba bahleliyo apha, phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu. Ukuba uyawukhulula ngentlawulelo, wukhulule ngentlawulelo; ukuba akuwukhululi ngentlawulelo, ndixelele ndazi; ngokuba akukho bani unokuwukhulula ngentlawulelo, ingenguwe; ndisemva kwakho mna. Wathi, Ndowukhulula ngentlawulelo mna.

4:5b.RUT.004.005 Wathi uBhohazi, Mhlenikweni uwuzuzayo umhlaba esandleni sikaNahomi, uwuzuza nakuRute, umMowabhikazi, umkamfi, ukuba uvuse igama lomfi elifeni lakhe.

4:6b.RUT.004.006 Wathi umkhululi lowo, Andinakuzikhululela ngentlawulelo ngokwam, hleze ndilonakalise elam ilifa. Zikhululele ngentlawulelo isilunga sam eso; ngokuba andinako mna ukuwukhulula ngentlawulelo.

4:7b.RUT.004.007 Ke kaloku kwakusithiwa kudala kwaSirayeli, ukukhulula ngentlawulelo nokwanana, ukuze yonke into ibe iqiniselwe, ubani anyothule imbadada yakhe ayinike ummelwane wakhe; oko kwaye kububungqina kwaSirayeli.

4:8b.RUT.004.008 Wathi umkhululi lowo kuBhohazi, Zithengele. Wanyothula imbadada yakhe.

4:9b.RUT.004.009 Wathi ke uBhohazi kumadoda amakhulu nakubantu bonke, Ningamangqina namhla, ukuba ndikuthengile konke okukaElimeleki, nako konke okukaKiliyon noMalon, esandleni sikaNahomi;

4:10b.RUT.004.010 noRute umMowabhikazi, umkaMalon, ndimzuzile ukuba abe ngumkam, ukuze kuvuswe igama lomfi elifeni lakhe, linganqanyulwa igama lomfi ebazalwaneni bakhe, nasesangweni lendawo yakhe: ningamangqina namhla.

4:11b.RUT.004.011 Bathi bonke abantu abasesangweni namadoda amakhulu, Singamangqina. UYehova makamenze lo mfazi ungenayo endlwini yakho, abe njengoRakeli nanjengoLeya, abayakhayo indlu kaSirayeli bobabini, avelise amandla e-Efrata, akwenzele udumo eBhetelehem;

4:12b.RUT.004.012 indlu yakho ibe njengendlu kaPeretse, awamzalayo uTamare kuYuda, ngembewu leyo aya kukunika uYehova ngale ntombazana.

4:13b.RUT.004.013 UBhohazi wamzeka ke uRute waba ngumkakhe, wamngena; waza uYehova wamnika ukuzala; wazala unyana.

4:14b.RUT.004.014 Bathi abafazi kuNahomi, Makabongwe uYehova ongakuyekelanga uswele umkhululi namhla; igama lakhe malivakale kwaSirayeli;

4:15b.RUT.004.015 abe ngumbuyisi womphefumlo kuwe, nomnqaki wezimvi zakho; ngokuba umolokazana wakho okuthandayo, lowo ulungileyo kuwe ngaphezu koonyana abasixhenxe, umzele.

4:16b.RUT.004.016 UNahomi wamthabatha umntwana lowo, wambeka esifubeni sakhe, waba ngumondli wakhe.

4:17b.RUT.004.017 Lwamthiya igama ummelwanekazi, lwathi, UNahomi uzalelwe unyana, lwathi igama lakhe nguObhedi; yena nguyise kaYese, uyise kaDavide.

4:18b.RUT.004.018 Yiyo le ke inzala kaPeretse: uPeretse wazala uHetseron;

4:19b.RUT.004.019 uHetseron wazala uRam; uRam wazala uAminadabhi;

4:20b.RUT.004.020 uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalemon;

4:21b.RUT.004.021 uSalemon wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhedi;

4:22b.RUT.004.022 UObhedi wazala uYese; uYese wazala uDavide.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Ruth (Xhosa). Ruth (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C38B-F