Genesis (Xhosa)

Genesis (Xhosa)

1

1:1b.GEN.001.001 Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi.

1:2b.GEN.001.002 Ke ehlabathini kwakusenyanyeni, kuselubala; kwakumnyama phezu kwamanzi enzonzobila. UMoya kaThixo wafukama phezu kwamanzi lawo.

1:3b.GEN.001.003 Wathi uThixo, Makubekho ukukhanya. Kwabakho ke ukukhanya.

1:4b.GEN.001.004 Wakubona ke uThixo ukukhanya ukuba kulungile, wahlula uThixo phakathi kokukhanya nobumnyama.

1:5b.GEN.001.005 Wathi uThixo ukukhanya yimini, wathi ubumnyama bubusuku. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wokuqala.

1:6b.GEN.001.006 Wathi uThixo, Makubekho isibhakabhaka phakathi kwawo amanzi, sibe ngumahlulo wokwahlula amanzi kumanzi.

1:7b.GEN.001.007 Wasenza uThixo isibhakabhaka, wawahlula amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kuwo amanzi angaphezu kwesibhakabhaka. Kwaba njalo.

1:8b.GEN.001.008 Wathi uThixo isibhakabhaka ngamazulu. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesibini.

1:9b.GEN.001.009 Wathi uThixo, Amanzi angaphantsi kwamazulu makahlanganiselwe ndaweni-nye, kubonakale okomileyo. Kwaba njalo.

1:10b.GEN.001.010 Wathi uThixo okomileyo ngumhlaba, wathi intlanganisela yamanzi ziilwandle. Wabona uThixo ukuba kulungile.

1:11b.GEN.001.011 Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo, embewu ikuyo, emhlabeni. Kwaba njalo.

1:12b.GEN.001.012 Umhlaba waphuma uhlaza, nemifuno evelisa imbewu ngohlobo lwayo, nemithi eyenza iziqhamo, embewu ikuyo, ngohlobo lwayo. Wabona uThixo ukuba kulungile.

1:13b.GEN.001.013 Kwahlwa kwasa: yangumhla wesithathu.

1:14b.GEN.001.014 Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka;

1:15b.GEN.001.015 mazibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise ehlabathini. Kwaba njalo.

1:16b.GEN.001.016 Wenza uThixo izikhanyiso ezikhulu zazibini, esona sikhulu isikhanyiso ukuba silawule imini, esona sincinane isikhanyiso ukuba silawule ubusuku; wenza neenkwenkwezi.

1:17b.GEN.001.017 Wazibeka uThixo esibhakabhakeni samazulu, ukuba zikhanyise ehlabathini, zilawule imini nobusuku,

1:18b.GEN.001.018 zahlule ukukhanya kubumnyama. Wabona uThixo ukuba kulungile.

1:19b.GEN.001.019 Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesine.

1:20b.GEN.001.020 Wathi uThixo, Amanzi la makanyakazele inyakanyaka, imiphefumlo ephilileyo; zithi neentaka ziphaphazele ehlabathini, esibhakabhakeni sezulu.

1:21b.GEN.001.021 Wadala uThixo oominenga mikhulu, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enambuzelayo, awanyakazela ngayo amanzi ngohlobo lwayo, neentaka zonke ezinamaphiko ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.

1:22b.GEN.001.022 Wazisikelela uThixo, esithi, Qhamani, nande, niwazalise amanzi aselwandle; zithi iintaka zande ehlabathini.

1:23b.GEN.001.023 Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesihlanu.

1:24b.GEN.001.024 Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo: izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo. Kwaba njalo.

1:25b.GEN.001.025 Wenza uThixo izinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, nezinto ezizitho zine ngohlobo lwazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.

1:26b.GEN.001.026 Wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi. Mababe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho zine, nasemhlabeni wonke, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzela emhlabeni.

1:27b.GEN.001.027 Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana.

1:28b.GEN.001.028 Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.

1:29b.GEN.001.029 Wathi uThixo, Yabonani, ndininikile yonke imifuno evelisa imbewu, esemhlabeni wonke, nayo yonke imithi eneziqhamo zemithi evelisa imbewu: yoba kukudla kuni.

1:30b.GEN.001.030 Nezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, neentaka zonke zezulu, nezinambuzane zonke ezisemhlabeni, ezinomphefumlo ophilileyo, ndizinike yonke imifuno eluhlaza ukuba ibe kukudla. Kwaba njalo.

1:31b.GEN.001.031 Wakubona uThixo konke akwenzileyo, nanko, kulungile kunene. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesithandathu.

2

2:1b.GEN.002.001 Agqitywa ke amazulu nehlabathi, nawo wonke umkhosi wezo zinto.

2:2b.GEN.002.002 Wawugqiba ke uThixo ngomhla wesixhenxe umsebenzi wakhe awawenzayo; waphumla ngomhla wesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wakhe awawenzayo.

2:3b.GEN.002.003 Wawusikelela uThixo umhla wesixhenxe, wawungcwalisa; ngokuba waphumla ngawo kuwo wonke umsebenzi wakhe awawudalayo uThixo, wawenza.

2:4b.GEN.002.004 Yiyo le ke inzala yamazulu nehlabathi ekudalweni kwezo zinto, mini wenza uYehova uThixo ihlabathi namazulu,

2:5b.GEN.002.005 onke amatyholo asendle engekaveli emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle ingekantshuli; kuba uYehova uThixo ebengekanisi mvula emhlabeni; kwaye kungekho mntu wokuwusebenza umhlaba.

2:6b.GEN.002.006 Kwaye kunyuka inkungu iphuma ehlabathini, yawunyakamisa wonke umhlaba.

2:7b.GEN.002.007 UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.

2:8b.GEN.002.008 UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile.

2:9b.GEN.002.009 UYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa; nomthi wobomi emyezweni phakathi, nomthi wokwazi okulungileyo nokubi.

2:10b.GEN.002.010 Kwaphuma umlambo e-Eden wokuwunyakamisa umyezo; wahluka apho, waba ziimbaxa ezine.

2:11b.GEN.002.011 Igama lowokuqala yiPishon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe laseHavila, apho ikhona igolide.

2:12b.GEN.002.012 Igolide yelo lizwe intle, ikhona ibhedolaki nelitye lebherilo.

2:13b.GEN.002.013 Igama lowesibini umlambo yiGihon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe lakwaKushi.

2:14b.GEN.002.014 Igama lowesithathu umlambo yiHidekele; nguwo lowo uya phambi kwelakwa-Asiriya. Owesine umlambo ngumEfrati.

2:15b.GEN.002.015 UYehova uThixo wamthabatha umntu, wambeka emyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, awugcine.

2:16b.GEN.002.016 UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungayidla uyidle;

2:17b.GEN.002.017 ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa.

2:18b.GEN.002.018 Wathi uYehova uThixo, Akulungile ukuba umntu abe yedwa, ndiya kumenzela umncedi onguwabo.

2:19b.GEN.002.019 UYehova uThixo wabumba ngomhlaba zonke izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu, wazisa kuye uAdam ukubona ukuba wothini na ukuzibiza, ukuze oko azibize ngako uAdam zonke izinto eziphilileyo, ibe ligama lazo elo.

2:20b.GEN.002.020 Wazithiya amagama uAdam zonke izinto ezizitho zine, neentaka zasezulwini, nazo zonke izinto eziphilileyo zasendle; ke uAdam akafunyanelwanga mncedi unguwabo.

2:21b.GEN.002.021 UYehova uThixo wawisa ubuthongo obukhulu phezu koAdam, walala. Wathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe, wavingca ngenyama esikhundleni salo.

2:22b.GEN.002.022 UYehova uThixo walwakha ubambo abeluthabathe kuAdam, lwaba ngumfazi; wamzisa kuAdam.

2:23b.GEN.002.023 Wathi uAdam, Eli ke ngoku lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam; lo yena ukubizwa kothiwa ngumfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni.

2:24b.GEN.002.024 Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.

2:25b.GEN.002.025 Baye bobabini behamba ze, umntu lowo nomkakhe, bengenazintloni.

3

3:1b.GEN.003.001 Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo?

3:2b.GEN.003.002 Wathi umfazi kwinyoka, Eziqhameni zemithi yomyezo singadla;

3:3b.GEN.003.003 ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife.

3:4b.GEN.003.004 Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa:

3:5b.GEN.003.005 kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.

3:6b.GEN.003.006 Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla.

3:7b.GEN.003.007 Aqabuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba ze; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo.

3:8b.GEN.003.008 Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo.

3:9b.GEN.003.009 UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Uphi na?

3:10b.GEN.003.010 Wathi yena, Ndive isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihamba ze; ndazimela.

3:11b.GEN.003.011 Wathi, Uxelelwe ngubani na, ukuba uhamba ze? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo?

3:12b.GEN.003.012 Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke.

3:13b.GEN.003.013 Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke.

3:14b.GEN.003.014 Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, uqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho zine, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho.

3:15b.GEN.003.015 Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.

3:16b.GEN.003.016 Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.

3:17b.GEN.003.017 KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho.

3:18b.GEN.003.018 Uya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, udle umfuno wasendle.

3:19b.GEN.003.019 Uya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.

3:20b.GEN.003.020 UAdam walibiza igama lomkakhe ngokuthi nguEva, ngokuba yena engunina wabaphilileyo bonke.

3:21b.GEN.003.021 UYehova uThixo wabenzela iingubo zezintsu uAdam nomkakhe, wabambathisa.

3:22b.GEN.003.022 Wathi uYehova uThixo, Yabonani, umntu usuke waba njengomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; hleze ke olule isandla sakhe, athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade:

3:23b.GEN.003.023 uYehova uThixo wamndulula emyezweni we-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo.

3:24b.GEN.003.024 Wamgxotha ke umntu; wamisa ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi, nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.

4

4:1b.GEN.004.001 Ke kaloku uAdam wamazi uEva umkakhe; wamitha wazala uKayin, wathi, Ndizuze indoda ngoYehova.

4:2b.GEN.004.002 Waphinda wazala umninawa wakhe, uAbheli; uAbheli waba ngumalusi wezimvu, uKayin waba ngumsebenzi womhlaba.

4:3b.GEN.004.003 Kwathi ekupheleni kwamihla ithile, uKayin wathabatha eziqhameni zomhlaba, wazisa umnikelo kuYehova.

4:4b.GEN.004.004 UAbheli wazisa naye, ethabathe kumazibulo ezimvu zakhe, kwezinamanqatha. Waza uYehova wambheka uAbheli nomnikelo wakhe.

4:5b.GEN.004.005 Akambheka uKayin nomnikelo wakhe. Waqumba kunene uKayin, basangana ubuso bakhe.

4:6b.GEN.004.006 Wathi uYehova kuKayin, Yini na ukuba uqumbe, yini na ukuba busangane ubuso bakhe?

4:7b.GEN.004.007 Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibuthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, silawule.

4:8b.GEN.004.008 Wathetha uKayin noAbheli umninawa wakhe, kwathi besendle, wesuka uKayin wamvunukela uAbheli umninawa wakhe, wambulala.

4:9b.GEN.004.009 Wathi uYehova kuKayin, Uphi na uAbheli, umninawa wakho? Wathi yena, Andazi; ndingumgcini womninawa wam, yini na?

4:10b.GEN.004.010 Wathi, Wenze ntoni na? Izwi legazi lomninawa wakho liyakhala emhlabeni kum.

4:11b.GEN.004.011 Ngoko uqalekisiwe emhlabeni, owakhamise umlomo wawo ukuba ulithabathe igazi lomninawa wakho esandleni sakho.

4:12b.GEN.004.012 Xenikweni uwusebenzayo umhlaba, awusayi kuphinda ukunike amandla awo; uya kubhadula uphalaphale ehlabathini.

4:13b.GEN.004.013 Wathi uKayin kuYehova, ityala lam likhulu ngokungenakuthwalwa.

4:14b.GEN.004.014 Yabona, undigxdothile namhla phezu komhlaba; ndiya kusithela nasebusweni bakho, ndibhadule ndiphalaphale ehlabathini bathi bonke abantu abandifumanayo bandibulale.

4:15b.GEN.004.015 Wathi uYehova kuye, xa kunjalo, bonke ababulala uKayin kophindezelwa kubo kasixhenxe. UYehova wammisela uKayin umqondiso, ukuze bonke abamfumanayo bangamsiki.

4:16b.GEN.004.016 Waphuma uKayin, wemka ebusweni bukaYehova; wahlala ezweni lakwaKuphalaphala phambi kwe-Eden.

4:17b.GEN.004.017 UKayin wamazi umkakhe, wamitha, wazala uEnoki. Wakha umzi, wawuthiya loo mzi ngegama lonyana wakhe uEnoki.

4:18b.GEN.004.018 UEnoki wazalelwa uIradi; uIradi wazala uMehuyaheli; uMehuyaheli wazala uMetusaheli; uMetusaheli wazala uLameki.

4:19b.GEN.004.019 ULameki wazeka abafazi ababini; igama lomnye belinguAda, igama lowesibini belinguZila.

4:20b.GEN.004.020 UAda wazala uYabhali yena waba nguyise wabahlala ezintenteni, nabafuyileyo.

4:21b.GEN.004.021 Igama lomninawa wakhe belinguYubhali; yena waba nguyise wabo bonke abaphatha uhadi nogwali.

4:22b.GEN.004.022 UZila uthe naye wazala uTubhalekayin, obekhanda yonke impahla enobukhali yobhedu nesinyithi; udade woTubhalekayin ebenguNahama.

4:23b.GEN.004.023 Wathi uLameki kubafazi bakhe, ada noZila, liveni ilizwi lam. Bafazi bakaLameki, phulaphulani intetho yam. Sendibulele indoda ngenxa yenxeba lam, nendodana ngenxa yomvumbo wam.

4:24b.GEN.004.024 Xa uKayin aya kuphindezelwa kasixhenxe, Yena uLameki uya kuphindezelwa kamashumi osixhenxe anesixhenxe.

4:25b.GEN.004.025 UAdam wabuya wamazi umkakhe, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete, kuba wathi, UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin.

4:26b.GEN.004.026 USete naye wazalelwa unyana, wathi igama lakhe nguEnoshe. Kwaqalwa oko ukunqulwa igama likaYehova.

5

5:1b.GEN.005.001 Yiyo le incwadi yenzala ka-Adam. Mhlana uThixo wamdala umntu, wamenza ngokufana noThixo.

5:2b.GEN.005.002 Wadala indoda nenkazana, wabasikelela, wabathiya igama elinguAdam, mhlana wabadala.

5:3b.GEN.005.003 UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete.

5:4b.GEN.005.004 Imihla ka-Adam emveni kokuzala kwakhe uSete yaba yiminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.

5:5b.GEN.005.005 Iyonke imihla ka-Adam, awahlala ngayo, yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathathu; wafa ke.

5:6b.GEN.005.006 USete wahlala iminyaka elikhulu elinaminyaka mihlanu, wazala uEnoshe.

5:7b.GEN.005.007 USete wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoshe iminyaka emakhulu asibhozo aneminyaka esixhenxe; wazala oonyana neentombi.

5:8b.GEN.005.008 Iyonke imihla kaSete yaba yiminyaka emakhulu asithoba anashumi-nye linamibini; wafa ke.

5:9b.GEN.005.009 UEnoshe wahlala iminyaka emashumi asithoba, wazala uKenan.

5:10b.GEN.005.010 UEnoshe wahlala emveni kokuzala kwakhe uKenan iminyaka emakhulu asibhozo anashumi-nye linamihlanu; wazala oonyana neentombi.

5:11b.GEN.005.011 Iyonke imihla kaEnoshe yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamihlanu; wafa ke.

5:12b.GEN.005.012 UKenan wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uMahalaleli.

5:13b.GEN.005.013 UKenan wahlala emveni kokuzala kwakhe uMahalaleli iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mane: wazala oonyana neentombi.

5:14b.GEN.005.014 Iyonke imihla kaKenan yaba yiminyaka emakhulu asithoba, aneminyaka elishumi; wafa ke.

5:15b.GEN.005.015 UMahalaleli wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uYerede.

5:16b.GEN.005.016 UMahalaleli wahlala emveni kokuzala kwakhe uYerede iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mathathu; wazala oonyana neentombi.

5:17b.GEN.005.017 Iyonke imihla kaMahalaleli yaba yiminyaka emakhulu asibhozo anamanci asithoba anamihlanu; wafa ke.

5:18b.GEN.005.018 UYerede wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathandathu anamibini, wazala uEnoki.

5:19b.GEN.005.019 UYerede wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoki iminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.

5:20b.GEN.005.020 Iyonke imihla kaYerede yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathandathu anamihlanu, anamibini; wafa ke.

5:21b.GEN.005.021 UEnoki wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uMethusela.

5:22b.GEN.005.022 UEnoki wahamba noThixo, emveni kokuzala kwakhe uMethusela, iminyaka emakhulu mathathu; wazala oonyana neentombi.

5:23b.GEN.005.023 Iyonke imihla kaEnoki yaba yiminyaka emakhulu mathathu, anamanci mathandathu anamihlanu.

5:24b.GEN.005.024 UEnoki wahamba noThixo; akabakho, ngokuba uThixo wamthabatha.

5:25b.GEN.005.025 UMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anesixhenxe, wazala uLameki.

5:26b.GEN.005.026 UMethusela wahlala emveni kokuzala kwakhe uLameki iminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asibhozo anamibini; wazala oonyana eneentombi.

5:27b.GEN.005.027 Iyonke imihla kaMethusela yaba yiminyaka emakhulu asithoba, anamanci mathandathu anesithoba; wafa ke.

5:28b.GEN.005.028 ULameki wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anamibini; wazala unyana.

5:29b.GEN.005.029 Wamthiya igama elinguNowa, esithi, Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova.

5:30b.GEN.005.030 ULameki wahlala emveni kokuzala kwakhe uNowa iminyaka emakulu mahlanu anamanci asithoba anamihlanu; wazala oonyana neentombi.

5:31b.GEN.005.031 Iyonke imihla kaLameki yaba yiminyaka emakhulu asixhenxe anesixhenxe; wafa ke.

5:32b.GEN.005.032 Ke uNowa ebeminyaka imakhulu mahlanu ezelwe; uNowa wazala ooShem noHam noYafete.

6

6:1b.GEN.006.001 Kuthe bakuqala ukwanda abantu ehlabathini, bakuzalelwa iintombi,

6:2b.GEN.006.002 bazibona oonyana bakaThixo iintombi zabantu ukuba zintle, bazeka abafazi kuzo zonke abazinyulayo.

6:3b.GEN.006.003 Wathi uYehova, UMoya wam akayi kulawula ebantwini ngonaphakade; ekulahlekeni kwabo bayinyama; imihla yabo iya kuba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini.

6:4b.GEN.006.004 Kwakukho iingxilimbela ehlabathini ngaloo mihla; kananjalo emveni koko, xeshikweni oonyana bakaThixo bangenayo kuzo iintombi zabantu, zabazalela abantwana. Aba baba ngamagorha ababekho kwasephakadeni, amadoda adumileyo.

6:5b.GEN.006.005 Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini, konke ukuyila kweengcinga zentliziyo yabo kubububi bodwa imihla yonke.

6:6b.GEN.006.006 Wazohlwaya uYehova, ngokuba emenzile umntu ehlabathini, kwaba buhlungu kuye entliziyweni.

6:7b.GEN.006.007 Wathi uYehova, Ndiya kumcima umntu endimdalileyo, angabikho ehlabathini, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kuse ezinambuzaneni, kuse ezintakeni zezulu, ngokuba ndizohlwaya ngokuba ndizenzile ezo zinto.

6:8b.GEN.006.008 UNowa yena wababalwa nguYehova.

6:9b.GEN.006.009 Yiyo le ke inzala kaNowa. UNowa waye eyindoda elilungisa, egqibeleleyo, ezizukulwaneni zakhe. UNowa wahamba noThixo.

6:10b.GEN.006.010 UNowa wazala oonyana abathathu: uShem noHam noYafete.

6:11b.GEN.006.011 Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo.

6:12b.GEN.006.012 UThixo walikhangela ihlabathi, nalo, lonakele! Ngokuba yonke inyama ibiyonakalisile indlela yayo ehlabathini.

6:13b.GEN.006.013 Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonakalisa, bona ndawonye nehlabathi.

6:14b.GEN.006.014 Zenzele ke umkhombe ngemithi yegofere, uwenze izindlu umkhombe, uwuqabe ngaphakathi nangaphandle ngebhitumene.

6:15b.GEN.006.015 Wenjenje ukuwenza: bube ngamakhulu omathathu eekubhite ubude bomkhombe, namashumi omathathu eekubhite ububanzi bawo, namashumi omathathu eekubhite ukuphakama kwawo.

6:16b.GEN.006.016 Wenze ikroba emkhombeni, ukuligqiba kwakho kube yikubhite enye, ithabathela phezulu; umnyango womkhombe uwumise ecaleni lawo; wenze izindlu zodidi lwaphantsi, nolwesibini, nolwesithathu.

6:17b.GEN.006.017 Mna ke, uyabona, ndihlisa unogumbe wamanzi ehlabathini, wokonakalisa yonke inyama enomoya wokuphila kuyo, ephantsi kwamazulu; konke okusehlabathini kuya kuphuma umphefumlo;

6:18b.GEN.006.018 ndiwumise umnqophiso wam nawe, ungene emkhombeni wena, noonyana bakho, nomkakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe.

6:19b.GEN.006.019 Kwizinto zonke eziphilileyo, kwinyama yonke, uze ungenise emkhombeni ngambini kuzo zonke, ukuze zisindiswe nawe, ibe yinkunzi nemazi;

6:20b.GEN.006.020 kwiintaka ngohlobo lwazo, kwiinkomo ngohlobo lwazo, kuzo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo, zibe ngambini kuzo zonke, eziya kungena kuwe, ukuba zisindiswe.

6:21b.GEN.006.021 Wena ke, uthabathele kuwe ekudleni konke okudliwayo, uhlanganisele kuwe kube kukudla kuwe nakuzo.

6:22b.GEN.006.022 Wenza uNowa konke uThixo abemwisele umthetho ngako, wenza njengoko.

7

7:1b.GEN.007.001 Wathi uYehova kuNowa, Ngena, wena nendlu yakho yonke, emkhombeni, ngokuba ndibona wena ilungisa phambi kwam kwesi sizukulwana.

7:2b.GEN.007.002 Kwizinto zonke ezizitho zine ezihlambulukileyo, thabathela kuwe ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi yayo; kwizinto ezizitho zine eziziinqambi thabatha ngambini, inkunzi nemazi yayo;

7:3b.GEN.007.003 nakwiintaka zezulu ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi, ukuze imbewu igcinakale ehlabathini lonke.

7:4b.GEN.007.004 Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndize ndinise imvula ehlabathini iimini zibe mashumi mane nobusuku obumashumi mane, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi.

7:5b.GEN.007.005 Wenza uNowa konke uYehova awamwisela umthetho ngako.

7:6b.GEN.007.006 UNowa waye eminyaka imakhulu mathandathu ezelwe, wabakho unogumbe wamanzi ehlabathini.

7:7b.GEN.007.007 Wangena uNowa emkhombeni, enoonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye, ngenxa yamanzi onogumbe.

7:8b.GEN.007.008 Kuzo izinto ezizitho zine ezihlambulukileyo, nakuzo izinto ezizitho zine eziziinqambi, nakuzo iintaka, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni,

7:9b.GEN.007.009 kwangena ngambini, ngambini, kuNowa emkhombeni, inkunzi nemazi, njengoko uThixo abemwisele umthetho uNowa.

7:10b.GEN.007.010 Kwathi emva kweentsuku ezisixhenxe, amanzi onogumbe abakho ehlabathini.

7:11b.GEN.007.011 Ngomnyaka wamakhulu omathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini, yagqabhuka yonke imithombo yamanzi enzonzobila enkulu, iingcango zezulu zavuleka.

7:12b.GEN.007.012 Wabakho umvumbi wemvula ehlabathini iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mani.

7:13b.GEN.007.013 Wangena emkhombeni kwangaloo mini uNowa, noShem noHam noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi bobathathu boonyana bakhe, ndawonye naye.

7:14b.GEN.007.014 Bona, neento zonke eziphilileyo ngohlobo lwazo, nezinto zonke ezizitho zine ngohlobo lwazo, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni ngohlobo lwazo, neentaka zonke ngohlobo lwazo, iinto zonke eziphaphazelayo, ezinamaphiko,

7:15b.GEN.007.015 zangena kuNowa emkhombeni, ngambini, ngambini, kwinyama yonke enomoya wokuphila kuyo.

7:16b.GEN.007.016 Zangena iinkunzi neemazi kwinyama yonke; zangena njengoko uThixo abemwisele umthetho. UYehova wamvalela ngaphakathi.

7:17b.GEN.007.017 Yaba ngunogumbe imihla emashumi mane ehlabathini, enyuka amanzi, awufukula umkhombe, wafunquleka emhlabeni.

7:18b.GEN.007.018 Aba namandla amanzi, enyuka kunene ehlabathini, wahamba umkhombe phezu kwamanzi.

7:19b.GEN.007.019 Aba namandla amanzi kunene kakhulu ehlabathini, zagutyungelwa zonke iintaba eziphakamileyo kakhulu, eziphantsi kwamazulu onke.

7:20b.GEN.007.020 Aba namandla amanzi, ada aba ziikubhite ezilishumi elinantlanu, ethabathela phezulu; zagutyungelwa ke iintaba.

7:21b.GEN.007.021 Yaphuma umphefumlo yonke inyama enambuzelayo emhlabeni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho zine, nakwizinto eziphilileyo, nakwinyakanyaka yonke enyakazelayo emhlabeni, nabantu bonke.

7:22b.GEN.007.022 Iinto zonke ezikuphefumla komoya wokuphila kusemathatheni azo, kwiinto zonke ezisemhlabeni owomileyo, zafa.

7:23b.GEN.007.023 Zabhujiswa ke izinto zonke ezimiyo, eziphezu komhlaba, kwathabathela emntwini kwesa ezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni, nasezintakeni zezulu; zabhujiswa azabakho ehlabathini; kwasala uNowa yedwa, nababenaye emkhombeni.

7:24b.GEN.007.024 Aba namandla amanzi ehlabathini imihla elikhulu elinamanci mahlanu.

8

8:1b.GEN.008.001 UThixo wamkhumbula uNowa, neento zonke eziphilileyo, nezinto zonke ezizitho zine ezazinaye emkhombeni; uThixo wahambisa umoya ehlabathini, awutha amanzi.

8:2b.GEN.008.002 Yavingcwa imithombo yamanzi enzonzobila neengcango zezulu, wathintelwa umvumbi wezulu.

8:3b.GEN.008.003 Abuya amanzi emhlabeni, amana ebuya, awutha amanzi ekupheleni kwemihla elikhulu elinamanci mahlanu.

8:4b.GEN.008.004 Umkhombe wazimisa ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, phezu kweentaba zaseArarati.

8:5b.GEN.008.005 Amanzi amana ewutha, kwada kwayinyanga yeshumi; ngeyeshumi ke, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, zabonakala iincopho zeentaba.

8:6b.GEN.008.006 Kwathi, ekupheleni kwemihla emashumi mane, wayivula uNowa ifestile yomkhombe abeyenzile;

8:7b.GEN.008.007 wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula, ada atsha amanzi ehlabathini.

8:8b.GEN.008.008 Wasusa ihobe, ukuze abone ukuba amanzi awuthile na phezu kwehlabathi.

8:9b.GEN.008.009 Ihobe alifumananga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wolula isandla sakhe, walithabatha, walingenisa kuye emkhombeni.

8:10b.GEN.008.010 Walinda eminye imihla esixhenxe, waphinda walisusa ihobe emkhombeni.

8:11b.GEN.008.011 Leza kuye ihobe ngexesha langokuhlwa; nanko, kukho igqabi lomnquma elisandula ukukhiwa emlonyeni walo; wazi uNowa, ukuba ehlile amanzi ehlabathini.

8:12b.GEN.008.012 Walinda eminye imihla ekwasixhenxe, walisusa ihobe; aliphindanga libuyele kuye kanjalo.

8:13b.GEN.008.013 Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omathandathu anamnye, ngolokuqala enyangeni yokuqala, amanzi atsha ehlabathini; uNowa walususa uphahla lomkhombe; wakhangela, nango umhlaba womile.

8:14b.GEN.008.014 Ngenyanga yesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo, woma kwaphela umhlaba.

8:15b.GEN.008.015 Wathetha uThixo kuNowa, esithi,

8:16b.GEN.008.016 Phuma emkhombeni, wena nomkakho, noonyana bakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe.

8:17b.GEN.008.017 Zonke izinto eziphilileyo ezikuwe, kwinyama yonke, ezintakeni, nasezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzelayo emhlabeni, phuma nazo, zizalise ihlabathi, ziqhame, zande ehlabathini.

8:18b.GEN.008.018 Waphuma ke uNowa, noonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye.

8:19b.GEN.008.019 Zonke izinto eziphilileyo, zonke izinambuzane, neentaka zonke, iinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, ngeentlobo zazo, zaphuma emkhombeni.

8:20b.GEN.008.020 UNowa wamakhela uYehova isibingelelo, wathabatha kwizinto zonke ezizitho zine ezihlambulukileyo, nakwiintaka zonke ezihlambulukileyo, wanyusa amadini anyukayo esibingelelweni eso.

8:21b.GEN.008.021 UThixo weva ivumba elithozamisayo, wathi uYehova entliziyweni yakhe, Andisayi kuphinda ndilitshabhise ihlabathi ngenxa yomntu, ngokuba ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe; andisayi kuphinda ndizibhubhise zonke izinto eziphilileyo, njengoko ndenze ngako.

8:22b.GEN.008.022 Kuthabathela apha, ngayo yonke imihla yehlabathi, akuyi kuphela ukuhlwayela nokuvuna, ukubanda nobushushu, ihlobo nobusika, imini nobusuku.

9

9:1b.GEN.009.001 UThixo wamsikelela uNowa noonyana bakhe, wathi kubo, Qhamani, nande, nizalise ihlabathi.

9:2b.GEN.009.002 Ukoyikeka kwenu, nokuqhiphula kwenu umbilini, makube phezu kwezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, naphezu kweentaka zonke zezulu, nakwiinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nakwiintlanzi zonke zolwandle; zona zinikelwe esandleni senu.

9:3b.GEN.009.003 Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni; njengomfuno oluhlaza, ndininikile oko konke.

9:4b.GEN.009.004 Yinyama yodwa enomphefumlo wayo, enegazi layo, eningasayi kuyidla.

9:5b.GEN.009.005 Ligazi lenu lodwa, imiphefumlo yenu ke, endiya kulibiza; esandleni sezinto zonke eziphilileyo ndiya kulibiza, nasesandleni somntu; esandleni salowo ungumzalwana wakhe, ndiya kuwubiza umphefumlo womntu.

9:6b.GEN.009.006 Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wenziwa ngokomfanekiselo kaThixo.

9:7b.GEN.009.007 Nina ke, qhamani nande, nilizalise ihlabathi, nande kulo.

9:8b.GEN.009.008 Watsho uThixo kuNowa, nakoonyana bakhe ndawonye naye, ukuthi,

9:9b.GEN.009.009 Yabonani, mna ndiyawumisa umnqophiso wam nani, nembewu yenu emva kwenu,

9:10b.GEN.009.010 nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho zine, nakwizinto zonke eziphilileyo zehlabathi ezikuni; kwiinto zonke eziphume emkhombeni, ezizizinto zonke eziphilileyo zehlabathi.

9:11b.GEN.009.011 Ndiwumise umnqophiso wam nani, ukuba ingabi sanqunyulwa yonke inyama ngamanzi onogumbe, kungabi sabakho nogumbe wokulonakalisa ihlabathi.

9:12b.GEN.009.012 Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kuse kwizizukulwana zasephakadeni:

9:13b.GEN.009.013 umnyama wam ndiwubeke efini, ukuba ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nehlabathi.

9:14b.GEN.009.014 Kothi, ndakuwusibekelisa ngelifu umhlaba, ubonakale umnyama lowo efini;

9:15b.GEN.009.015 ndiwukhumbule umnqophiso wam ophakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enyameni yonke, angabi sabakho amanzi onogumbe okonakalisa inyama yonke.

9:16b.GEN.009.016 Umnyama woba semafini ke, ndiwukhangele, ndikhumbule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini.

9:17b.GEN.009.017 Wathi uThixo kuNowa, Nguwo lowo umqondiso womnqophiso endiwumisileyo phakathi kwam nayo yonke inyama esehlabathini.

9:18b.GEN.009.018 Ke kaloku oonyana bakaNowa, abaphuma emkhombeni, babengooShem, noHam, noYafete; uHam ke nguyise kaKanan.

9:19b.GEN.009.019 Aba bathathu ngoonyana bakaNowa; balizaza ihlabathi lonke.

9:20b.GEN.009.020 UNowa wathi, engumlimi womhlaba, waqala watyala isidiliya.

9:21b.GEN.009.021 Wasela iwayini, wanxila, wazihluba phakathi kwentente yakhe.

9:22b.GEN.009.022 UHam, uyise kaKanan, wabubona ubuze bukayise, waxelela abakhuluwa bakhe bobabini ngaphandle.

9:23b.GEN.009.023 UShem noYafete bathabatha ingubo, bayibeka emagxeni abo bobabini, baya ngomva, babugubungela ubuze bukayise.

9:24b.GEN.009.024 Wavuka uNowa ewayinini yakhe, wakwazi akwenzileyo unyana wakhe omnci kuye.

9:25b.GEN.009.025 Wathi, Makaqalekiswe uKanan, Abe sisicaka sezicaka kubazalwana bakhe.

9:26b.GEN.009.026 Wathi, Makabongwe uYehova uThixo kaShem, UKanan abe sisicaka kubo.

9:27b.GEN.009.027 UThixo makamvulele uYafete, Ahlale ezintenteni zikaShem, UKanan abe sisicaka kubo.

9:28b.GEN.009.028 Wahlala uNowa emveni konogumbe iminyaka emakhulu mthathu anamanci mahlanu.

9:29b.GEN.009.029 Yonke imihla kaNowa yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mahlanu; wafa ke.

10

10:1b.GEN.010.001 Yiyo le ke inzala yoonyana bakaNowa: uShem, noHam, noYafete. Bazalelwa oonyana emveni konogumbe.

10:2b.GEN.010.002 Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noYavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi.

10:3b.GEN.010.003 Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noRifati, noTogarma.

10:4b.GEN.010.004 Oonyana bakaYavan nguElisha, noTarshishe, ngamaKiti namaDodan.

10:5b.GEN.010.005 Zadabuka kubo abo iziqithi zeentlanga emazweni, lwaolo ngokolwimi lwalo, ngokwesizwe salo ezintlangeni zazo.

10:6b.GEN.010.006 Oonyana bakaHam nguKushi, noMitserayim, noPuti, noKanan.

10:7b.GEN.010.007 Oonyana bakaKushi nguSebha, noHavila, noSebheta, noRama, noSabheteka; oonyana bakaRama nguShebha noDedan.

10:8b.GEN.010.008 UKushi wazala uNimrodi; yena waqala waba ligorha ehlabathini.

10:9b.GEN.010.009 Yena waba ligorha lezingela phambi koYehova; ngenxa yoko kwathiwa, NjengoNimrodi, igorha lezingela phambi koYehova.

10:10b.GEN.010.010 Ukuqala kobukumkani bakhe yiBhabheli, ne-Ereki, neAkadi, neKalene, ezweni leShinare.

10:11b.GEN.010.011 Kulo elo zwe waphuma waya kwelaseAsiriya, wikha iNineve neRehobhotire nomzi weKala,

10:12b.GEN.010.012 neRezen, phakathi kweNineve neKala; nguloo mzi mkhulu ke lowo.

10:13b.GEN.010.013 UMitzerayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,

10:14b.GEN.010.014 namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti namaKafetori.

10:15b.GEN.010.015 UKanan wazala uTsidon, owamazi bulo wakhe, noHeti,

10:16b.GEN.010.016 namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,

10:17b.GEN.010.017 namaHivi, nama-Areki, namaSin,

10:18b.GEN.010.018 nama-Arvadi, namaTsemari, namaHamati; emveni koko zaphangalala izizwe zamaKanan.

10:19b.GEN.010.019 Umda wamaKanan wathabathela eTsidon, wasinga eGerare, wasa eGaza; wasinga eSodom, neGomora, neAdama, neTsebhoyim, wasa eLasha.

10:20b.GEN.010.020 Ngabo abo oonyana bakaHam, ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ezintlangeni zabo.

10:21b.GEN.010.021 UShem wazalelwa naye; unguyise wabo bonke oonyana bakaEbhere, ungumzalwana omkhulu kaYafete.

10:22b.GEN.010.022 Oonyana bakaShem nguElam, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram.

10:23b.GEN.010.023 Oonyana baka-Aram ngu-Utse, noHuli, noGetere, noMashi.

10:24b.GEN.010.024 UArpakishadi wazala uShela, uShela wazala uEbhere.

10:25b.GEN.010.025 UEbhere wazalelwa oonyana bababini; igama lomnye belinguPelege, ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi behlabathi; igama lomninawa wakhe belinguYoketan.

10:26b.GEN.010.026 UYoketan wazala uAlemodadi, noShelefe, noHatsaremavete, noYera,

10:27b.GEN.010.027 noHadoram, noUzali, noDikela,

10:28b.GEN.010.028 no-Obhali, noAbhimayeli, noShebha,

10:29b.GEN.010.029 no-Ofire, noHavila, noYobhabhi; bonke abo bangoonyana bakaYoketan.

10:30b.GEN.010.030 Ukuma kwabo kwathabathela eMesha, kwasinga eZefara, intaba yasempumalanga.

10:31b.GEN.010.031 Ngabo abo oonyana bakaShem ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ngokweentlanga zabo.

10:32b.GEN.010.032 Zizo ezo izizwe zoonyana bakaNowa, ngokweenzalo zabo, ezintlangeni zabo; zadabuka kubo abo iintlanga ehlabathini emveni konogumbe.

11

11:1b.GEN.011.001 Ke kaloku lonke ihlabathi libe lintetho-nye, limazwi manye.

11:2b.GEN.011.002 Kwathi, ekundulukeni kwabo besinga empumalanga, bafumana ithafa ezweni laseShinare; bahlala khona. Bathi abanye kwabanye, Yizani, senze izitena, sizitshise kunene.

11:3b.GEN.011.003 Baba nezitena endaweni yamatye, nebhitumene endaweni yodaka.

11:4b.GEN.011.004 Bathi, Yizani, sizakhele umzi, nepoma lenqaba elincopho isemazulwini; sizenzele igama, hleze sichithakalele ehlabathini lonke.

11:5b.GEN.011.005 UYehova wehla, eza kukhangela umzi lowo, nenqaba leyo inde, bayakhayo oonyana boluntu.

11:6b.GEN.011.006 Wathi uYehova, Yabona, abantu banye, bantetho-nye bonke bephela; yingqalo ke le yokwenza kwabo; kaloku abayi kunqatyelwa nto bayinkqangiyeleyo ukuyenza.

11:7b.GEN.011.007 Yizani, sihle, sidube khona apho intetho yabo, ngokokuze bangevani ngentetho.

11:8b.GEN.011.008 UYehova wabachithachitha kwalapho ehlabathini lonke; bayeka ukuwakha loo mzi.

11:9b.GEN.011.009 Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli; ngokuba uYehova wayiduba khona apho intetho yehlabathi lonke, wabachithachitha kwalapho uYehova ehlabathini lonke.

11:10b.GEN.011.010 Yiyo le ke inzala kaShem: uShem ubeminyaka ilikhulu ezelwe, wazala uArpakishadi, iminyaka emibini emveni konogumbe.

11:11b.GEN.011.011 UShem wahlala emveni kokuzala kwakhe uArpakishadi iminyaka emakhulu mahlanu, wazala oonyana neentombi.

11:12b.GEN.011.012 UArpakishadi wahlala iminyaka emashumi mathathu anamihlanu, wazala uShela.

11:13b.GEN.011.013 UArpakishadi wahlala emveni kokuzala kwakhe uShela iminyaka emakhulu mane anamathathu, wazala oonyana neentombi.

11:14b.GEN.011.014 UShela wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uEbhere.

11:15b.GEN.011.015 UShela wahlala emveni kokuzala kwakhe uEbhere iminyaka emakhulu mane anamithathu, wazala oonyana neentombi.

11:16b.GEN.011.016 UEbhere wahlala iminyaka emashumi mathathu anamine, wazala uPelege.

11:17b.GEN.011.017 UEbhere wahlala emveni kokuzala kwakhe uPelege iminyaka emakhulu mane anamanci mathathu, wazala oonyana neentombi.

11:18b.GEN.011.018 UPelege wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uRehu.

11:19b.GEN.011.019 UPelege wahlala emveni kokuzala kwakhe uRehu iminyaka emakhulu mabini anesithoba, wazala oonyana neentombi.

11:20b.GEN.011.020 URehu wahlala iminyaka emashumi mathathu anamibini, wazala uSerugi.

11:21b.GEN.011.021 URehu wahlala emveni kokuzala kwakhe uSerugi iminyaka emakhulu mabini anesixhenxe, wazala oonyana neentombi.

11:22b.GEN.011.022 USerugi wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uNahore.

11:23b.GEN.011.023 USerugi wahlala emveni kokuzala kwakhe uNahore iminyaka emakhulu mabini, wazala oonyana neentombi.

11:24b.GEN.011.024 UNahore wahlala iminyaka emashumi mabini anesithoba, wazala uTera.

11:25b.GEN.011.025 UNahore wahlala emveni kokuzala kwakhe uTera iminyaka elikhulu elinashumi-nye linesithoba, wazala oonyana neentombi.

11:26b.GEN.011.026 UTera wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uAbram, noNahore, noHaran.

11:27b.GEN.011.027 Yiyo le ke inzala kaTera: uTera wazala uAbram, noNahore, noHaran; uHaran wazala uLote.

11:28b.GEN.011.028 Wafa uHaran esekho uTera uyise, ezweni lokuzalwa kwakhe, eUre yamaKaledi.

11:29b.GEN.011.029 UAbram noNahore bazeka abafazi; igama lomka-Abram lalinguSarayi; igama lomkaNahore lalinguMilka, intombi kaHaran, usoMilka, usoYiska.

11:30b.GEN.011.030 USarayi ebengazali, engenamntwana.

11:31b.GEN.011.031 UTera wamthabatha uAbram, unyana wakhe, noLote unyana kaHaran, unyana wonyana wakhe, noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram unyana wakhe, baphuma nabo eUre yamaKaledi, besiya ezweni lakwaKanan; bafika kwelakwaHaran, bahlala khona.

11:32b.GEN.011.032 Imihla kaTera yaba yiminyaka emakhulu mabini anamihlanu; wafa uTera kwelakwaHaran.

12

12:1b.GEN.012.001 Ke kaloku uYehova wathi kuAbram, Hamba, umke ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, nasendlwini kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona;

12:2b.GEN.012.002 ndikwenze uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho, ube yintsikelelo;

12:3b.GEN.012.003 ndibasikelele abakusikelelayo, ndimtshabhise okuqalekisayo; zisikeleleke ngawe zonke izizwe zehlabathi.

12:4b.GEN.012.004 Wahamba uAbram njengoko wathethayo uYehova kuye; wahamba naye uLote. UAbram ubeminyaka imashumi asixhenxe anamihlanti ezelwe, ukuphuma kwakhe kwelakwaHaran.

12:5b.GEN.012.005 UAbram wathabatha uSarayi umkakhe, noLote unyana womninawa wakhe, nengqwebo yabo yonke ababeyiqwebile, nabantu ababebafumene kwelakwaHaran; baphuma ke besiya ezweni lakwaKanan, bafika ke ezweni lakwaKanan.

12:6b.GEN.012.006 UAbram wacanda ilizwe, wada waya kwindawo enoShekem, wada waya eMokini kaMore. AmaKanan abekho ngelo xesha kulo ilizwe.

12:7b.GEN.012.007 UYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe. Wamakhela khona isibingelelo uYehova, owabonakalayo kuye.

12:8b.GEN.012.008 Wesuka khona waya entabeni ngasempumalanga, eBheteli, wayitwabulula intente yakhe, iBheteli ingasentshonalanga, iAyi ingasempumalanga; wamakhela khona isibingelelo uYehova, wanqula igama likaYehova.

12:9b.GEN.012.009 Wanduluka uAbram, ehamba encothula, esinga kwelasezantsi.

12:10b.GEN.012.010 Kwabakho indlala ezweni. Wehla uAbraham waya eYiputa, ukuze aphambukele khona; ngokuba indlala ibinzima elizweni.

12:11b.GEN.012.011 Kwathi, akusondela ukuba angene eYiputa, wathi kuSarayi umkakhe, Uyabona ke, ndiyazi ukuba ungumfazi omhle imbonakalo.

12:12b.GEN.012.012 Kothi ke, akukubona amaYiputa, athi, Ngumkakhe lo; andibulale, akuyeke wena udle ubomi.

12:13b.GEN.012.013 Uze uthi, ungudade wethu wena; ukuze kulunge kum ngenxa yakho, umphefumlo wam udle ubomi ngenxa enawe.

12:14b.GEN.012.014 Kwathi, akufika uAbram eYiputa, ambona amaYiputa umfazi ukuba uyinzwakazi.

12:15b.GEN.012.015 Bambona abathetheli bakaFaro, bamdumisa kuFaro; umfazi wasiwa endlwini kaFaro.

12:16b.GEN.012.016 Wamphatha ngokulungileyo uAbram ngenxa yakhe; wanempahla emfutshane, neenkomo, namaesile, nabakhonzi, nabakhonzazana, neemazi zamaesile, neenkamela.

12:17b.GEN.012.017 UYehova wambetha uFaro nendlu yakhe ngezibetho ezikhulu ngenxa kaSarayi, umka-Abram.

12:18b.GEN.012.018 UFaro wambiza uAbram wathi, Yintoni na le uyenzileyo kum? Yini na ukuba ungandixeleli ukuba ngumkakho?

12:19b.GEN.012.019 Yini na ukuba uthi, ngudade wenu? Ndamthabatha ukuba abe ngumfazi wam. Ngoku ke nanko unikakho, mthabathe uhambe.

12:20b.GEN.012.020 UFaro wawawisela umthetho amadoda ngaye; amkhapha yena nomkakhe, nezinto zakhe zonke.

13

13:1b.GEN.013.001 Wenyuka uAbram, ephuma eYiputa, yena nomkakhe, neento zakhe zonke, enoLote, esinga kwelasezantsi.

13:2b.GEN.013.002 UAbram waye esisityebi kunene ngemfuyo, nangesilivere, nangegolide.

13:3b.GEN.013.003 Wahamba encothula, esuka kwelasezantsi, wafika eBheteli, kuloo ndawo yayikhona intente yakhe matanci, phakathi kweBheteli neAyi,

13:4b.GEN.013.004 endaweni yesibingelelo awasenzayo khona ekuqaleni. UAbram walinqula khona igama likaYehova.

13:5b.GEN.013.005 Naye uLote, obehamba noAbram, waye enempahla emfutshane, neenkomo, neentente.

13:6b.GEN.013.006 Ilizwe elo alaba nakubathwala, ukuba bahlale ndawonye; ngokuba impahla yabo yayininzi, ababa nakuhlala ndawonye.

13:7b.GEN.013.007 Kwabakho ukubambana phakathi kwabalusi bemfuyo ka-Abram nabalusi bemfuyo kaLote. Ngelo xesha ilizwe lalimiwe ngamaKanan namaPerizi.

13:8b.GEN.013.008 UAbram wathi kuLote, Makungabikho mbambano kaloku phakathi kwam nawe, naphakathi kwabalusi bam nabalusi bakho; ngokuba singamadoda azalanayo.

13:9b.GEN.013.009 Aliphambi kwakho na ilizwe lonke? Khawahluke kum; ukuba uya ekhohlo, ndoya ekunene, ukuba uya ekunene, ndoya ekhohlo.

13:10b.GEN.013.010 ULote waphakamisa amehlo akhe, wawukhangela wonke ummandla waseYordan, ngokuba ubunamanzi wonke, engekayonakalisi uYehova iSodom neGomora, unjengomyezo kaYehova, unjengelizwe laseYiputa, usingise eTsohare.

13:11b.GEN.013.011 ULote wawunyula wonke ummandla waseYordan; wanduluka uLote waya ngasempumalanga; bahlukana ke.

13:12b.GEN.013.012 UAbram wahlala ezweni lakwaKanan; uLote wahlala emizini yaloo mmandla, wayisondezela eSodom intente yakhe.

13:13b.GEN.013.013 Ke kaloku amadoda aseSodom ayengabenzi bobubi, engaboni abakhulu kuYehova.

13:14b.GEN.013.014 Wathi uYehova kuAbram, emveni kokuba uLote ahlukane naye, Khawuwaphakamise amehlo akho ukuloo ndawo ukuyo, ubhekise entla, nasezantsi, nasempumalanga, nasentshonalanga;

13:15b.GEN.013.015 ngokuba lonke ilizwe olibonayo ndiya kulinika wena, nembewu yakho, kude kuse ephakadeni;

13:16b.GEN.013.016 ndiyenze imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, angathi ubani enako ukulubala uthuli lomhlaba, ayibale nembewu yakho.

13:17b.GEN.013.017 Suka, ulihambe ilizwe ngobude balo nangobubanzi balo; ngokuba ndiya kulinika wena.

13:18b.GEN.013.018 Wancothula uAbram intente yakhe, waya wahlala ngaseMiokini kaMamre eseHebron, wakhela khona uYehova isibingelelo.

14

14:1b.GEN.014.001 Kwathi ngemihla ka-Amrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare, noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi,

14:2b.GEN.014.002 benza imfazwe noBhera ukumkani waseSodom, noBhirsha ukumkani waseGomora, noShinabhi ukumkani waseAdama, noShemebhere ukumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare.

14:3b.GEN.014.003 Bonke abo baqukana entilini yaseSidim, eluLwandle lweTyuwa.

14:4b.GEN.014.004 Iminyaka elishumi elinamibini bakhonza uKedorlahomere, bathi ngomnyaka weshumi elinantathu bagwilika.

14:5b.GEN.014.005 Ngomnyaka weshumi elinamine weza uKedorlahomere nookumkani ababanaye, bawatshabalalisa amaRafa eAshtaroti-karnayim, namaZuzi eHam, namaEma ethafeni laseKiriyatayim,

14:6b.GEN.014.006 namaHori entabeni yawo yakwaSehire, kwasa kwiElparan, engasentlango.

14:7b.GEN.014.007 Bajika, beza e-En-mishpati eyiKadeshe, balitshabalalisa lonke ilizwe lakwa-Amaleki, nama-Amori abehleli eHatsetson-tamare.

14:8b.GEN.014.008 Waphuma ukumkani waseSodom, nokumkani waseGomora, nokumkani waseAdama, nokumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare, bakha uluhlu lokulwa nabo entilini yaseSidim;

14:9b.GEN.014.009 noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi, noAmrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare: ookumkani abahlanu balwa nabane.

14:10b.GEN.014.010 Ke intili yaseSidim yaye iyimingxuma yodwa yebhitumene; basaba ookumkani, owaseSodom, nowaseGomora, beyela khona, amasalela asabela entabeni.

14:11b.GEN.014.011 Bayithabatha yonke impahla yaseSodom, neGomora, nako konke ukudla kwabo, bemka.

14:12b.GEN.014.012 Bamthabatha noLote, nempahla yakhe, unyana womninawa ka-Abram, bemka; kuba wayehleli eSodom.

14:13b.GEN.014.013 Wafika osindileyo, waxelela uAbram, umHebhere; yena ebehleli eMiokini kaMamre umAmori, umzalwana kaEshkoli, nomzalwana ka-Anere; bona ke bebengamanqophisana noAbram.

14:14b.GEN.014.014 Weva ke uAbram, ukuba uthinjiwe umzalwana wakhe, wawaphalaza amadoda akhe aqeqeshiweyo, azalelwe endlwini yakhe, angamakhulu mathathu aneshumi elinesibhozo, wasukela, waya kufika kwaDan.

14:15b.GEN.014.015 Wawahlulahlula, wabawela ebusuku, yena nabakhonzi bakho, wabagxotha, wabasukela wasa eHobha, engasekhohlo kweDamasko.

14:16b.GEN.014.016 Wazibuyisa zonke iimpahla, kwanoLote unizalwana wakhe, wazibuyisa neempahla zakhe, kwanabafazi nabantu.

14:17b.GEN.014.017 Waphuma ukumkani waseSodom, esiya kumkhawulela ekubuyeni kwakhe ekutshabalaliseni uKedorlahomere, nookumkani ebabenaye, entilini yeShave, eyintili yookumkani.

14:18b.GEN.014.018 UMelkitsedeke, ukumkani waseSalem, waphuma enesonka newayini, ubengumbingeleli kaThixo Osenyangweni.

14:19b.GEN.014.019 Wamsikelela wathi, Makasikelelwe uAbram nguThixo Osenyangweni, uMninimazulu nehlabathi!

14:20b.GEN.014.020 Makabongwe uThixo Osenyangweni obanikeleyo ababandezeli bakho esandleni sakho. UAbram wamnika isishumi seento zonke.

14:21b.GEN.014.021 Wathi ukumkani waseSodom, kuAbram, Ndinike abantu, uthabathe impahla.

14:22b.GEN.014.022 Wathi uAbram kukumkani waseSodom, Isandla sam ndisiphakamisele kuYehova uThixo Osenyangweni, uMninimazulu nehlabathi,

14:23b.GEN.014.023 ukuba andiyi kuthabatha nosinga, nokuba ngumtya wembadada, ukuba andiyi kuthabatha kuko konke okwakho; ukuze ungatsho ukuthi, Mna nidimtyebisile uAbram.

14:24b.GEN.014.024 Makungabikho nto iyeyam, kuphela ibe yile nto idliweyo ngabafana, nesabelo samadoda abehamba nam, uAnere, noEshkoli, noMamre; wona makasithabathe isabelo sawo.

15

15:1b.GEN.015.001 Emveni kwezo zinto, lafika ilizwe likaYehova kuAbram ngombono, lisithi, Musa ukoyika, Abram; ndiyingweletshetshe yakho, umvuzo wakho omkhulu kunene.

15:2b.GEN.015.002 Wathi uAbram, Nkosi yam, Yehova, wondinika ntoni na? Ndihamba ndingenamntwana; indlamafa yendlu yam ngulo Eliyezere waseDamasko.

15:3b.GEN.015.003 Wathi uAbram, Yabona, akundinikanga mbewu; yabona, umntu ongowendlu yam uya kuba yindlamafa yam.

15:4b.GEN.015.004 Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye, lisithi, Akayi kuba yindlamafa yakho lo; ngoya kuphuma ezibilini zakhe, yena oya kuba yindlamafa yakho.

15:5b.GEN.015.005 Wamsa phandle, wathi, Khawubheke phezulu ezulwini, uzibale iinkwenkwezi, ukuba unokuzibala; wathi kuye, Iya kuba njalo ke imbewu yakho.

15:6b.GEN.015.006 Wakholwa kuYehova; oko wakubalela ebulungiseni kuye.

15:7b.GEN.015.007 Wathi kuye, NdinguYehova owakukhuphayo eUre yamaKaledi, ukuba ndikunike eli lizwe, ulidle ilifa.

15:8b.GEN.015.008 Wathi yena, Nkosi Yehova, ndiya kwazi ngantoni na, ukuba ndiya kulidla ilifa?

15:9b.GEN.015.009 Wathi kuye, Ndithabathele ithokazi eliminyaka mithathu, nemazi yebhokhwe eminyaka mithathu, nenkunzi yemvu eminyaka mithathu, nehobe, negobo levukuthu.

15:10b.GEN.015.010 Wamthabathela ke zonke ezo zinto, wazicanda kubini, wazibeka izahlulo, esinye sakhangelana nesinye; ke zona iintaka akazicanda.

15:11b.GEN.015.011 Ehla amaxhalanga phezu kwezidumbu, wawaphekuza uAbram.

15:12b.GEN.015.012 Kwathi, xa litshonayo ilanga, efikelwe uAbram bubuthongo obukhulu, wabo na efikelwa kukothuka nabubumnyama obukhulu.

15:13b.GEN.015.013 Wathi kuAbram, Yazi ke, ukuba imbewu yakho iya kuba ngumphambukeli ezweni elingelayo, ibakhonze abo, bayicinezele, iminyaka emakhulu mane.

15:14b.GEN.015.014 Kananjalo uhlanga eya kulukhonza ndiya kulugweba; emveni koko iya kuphuma ineempahla ezininzi.

15:15b.GEN.015.015 Ke wena uya kuya kooyihlo unoxolo; ungcwatywe uyingwevu enkulu.

15:16b.GEN.015.016 Kwesesine isizukulwana iya kubuyela apha, kuba ubugwenxa bama-Amori abukazaliseki.

15:17b.GEN.015.017 Kwathi, lakuba litshonile ilanga, kwakuba sithokothoko, wabona kukho; iziko eliqhumayo, elinelangatye elidangazelayo, elacanda phakathi kwezo zahlulo.

15:18b.GEN.015.018 Ngaloo mini ke uYehova wenza umnqophiso noAbram, wathi, Imbewu yakho ndiyinike eli lizwe, lithabathele emlanjeni waseYiputa, lise emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati:

15:19b.GEN.015.019 amaKeni, namaKinazi, namaKadimon,

15:20b.GEN.015.020 namaHeti, namaPerizi, namaRafa,

15:21b.GEN.015.021 nama-Amori, namaKanan, namaGirigashi, namaYebhusi.

16

16:1b.GEN.016.001 Ke kaloku uSarayi umka-Abram ubengamzaleli mntwana. Waye enomkhonzazana ongumYiputazana, ogama belinguHagare.

16:2b.GEN.016.002 Wathi uSarayi kuAbram, Yabona, uYehova undivingcile ukuba ndingazali; khawungene kumkhonzazana wam lo, mhlawumbi ndingakheka ngaye. Waliphulaphula uAbram izwi likaSarayi.

16:3b.GEN.016.003 Wathi uSarayi, umka-Abram, wamthabatha uHagare umYiputazana, umkhonzazana wakhe, emveni kokuba uAbram wayehleli iminyaka elishumi ezweni lakwaKanan, wamnika uAbram indoda yakhe ukuba abe ngumkakhe.

16:4b.GEN.016.004 Wamngena ke uHagare, wamitha; akubona ukuba umithi, inkosikazi yakhe yacukucezeka emehlweni akhe.

16:5b.GEN.016.005 Wathi uSarayi kuAbram, Ukoniwa kwam makube phezu kwakho; umkhonzazana wam ndimnike mna esifubeni sakho; uthe akubona ukuba umithi, ndacukucezeka emehlweni akhe; uYehova makagwebe phakathi kwam nawe.

16:6b.GEN.016.006 Wathi uAbram kuSarayi, Yabona, umkhonzazana wakho asesandleni sakho; yenza kuye okulungileyo emehlweni akho. USarayi wamcinezela, wabaleka wemka ebusweni bakhe.

16:7b.GEN.016.007 Ke kaloku isithunywa sikaYehova samfumana ngasemthonjeni wamanzi entlango, ngasemthonjeni osendleleni eya eShure.

16:8b.GEN.016.008 Sathi, Hagare, mkhonzazana kaSarayi, uvela phi na, usiya phi na? Wathi, Ndibaleke ndemka ebusweni bukaSarayi, inkosikazi yam.

16:9b.GEN.016.009 Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Buyela kwinkosikazi yakho, uzithobe phantsi kwesandla sayo.

16:10b.GEN.016.010 Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Ndiya kuyandisa kakhulu imbewu yakho, ingabalwa ngenxa yobuninzi.

16:11b.GEN.016.011 Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Yabona umithi; uya kuzala unyana, umthiye igama elinguIshmayeli, ngokuba uYehova uzivile iintsizi zakho.

16:12b.GEN.016.012 Yena uya kuba ngumntu onjenge-esile lasendle ukundweba; isandla sakhe siya kuchasana nabantu bonke, isandla sabantu bonke sichasane naye; ahlale ebusweni babazalwana bakhe bonke.

16:13b.GEN.016.013 Walibiza igama likaYehova, obethetha naye, wathi, UnguThixo ozibonakalisayo. Ngokuba wathi, Ndisabona na nalapha, emveni kokuba ndimbonile?

16:14b.GEN.016.014 Ngenxa yoko walithiya elo qula igama lokuthi liQula likaPhila-ebonile; nalo phakathi kweKadeshe neBherede.

16:15b.GEN.016.015 UHagare wamzalela uAbram unyana; uAbram ukumthiya igama unyana wakhe, lowo abemzalele yena uHagare, wathi nguIshmayeli.

16:16b.GEN.016.016 UAbram ubeminyaka imashumi asibhozo anamithandathu ezelwe, oko uHagare wamzalelayo uAbram uIshmayeli.

17

17:1b.GEN.017.001 Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo.

17:2b.GEN.017.002 Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene.

17:3b.GEN.017.003 Wawa uAbram ngobuso bakhe.

17:4b.GEN.017.004 UThixo wathetha naye, esithi, Mna, yabona, umnqophiso wam unawe; uya kuba nguyise wengxokolo yeentlanga.

17:5b.GEN.017.005 Kananjalo akusayi kuthiwa igama lakho nguAbram; igama lakho liya kuba nguAbraham, ngokuba ndikwenze uyise wengxokolo yeentlanga;

17:6b.GEN.017.006 ndiya kukuqha misa kakhulu kunene, ndikwenze iintlanga, kuphume ookumkani kuwe;

17:7b.GEN.017.007 ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe, nakwimbewu yakho emva kwakho;

17:8b.GEN.017.008 ndilinike wena nembewu yakho emva kwakho ilizwe lokuphambukela kwakho, lonke ilizwe eli lakwaKanan, ukuba libe yinto yenu ngonaphakade, ndibe nguThixo wabo.

17:9b.GEN.017.009 Wathi uThixo kuAbraham, Wena ke, umnqophiso wam wowugcina, nembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zabo.

17:10b.GEN.017.010 Nguwo lo umnqophiso wam eniya kuwugcina phakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho: wokuba yonke into eyindoda kuni yaluswe; naluswe inyama yokwaluswa;

17:11b.GEN.017.011 oko kube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nani.

17:12b.GEN.017.012 Unyana omihla isibhozo makaluswe kuni, yonke into eyindoda kwizizukulwana zenu, ezelwe endlwini, nezuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, ongengowembewu yakho yena.

17:13b.GEN.017.013 Makaluswe ozelwe endlwini yakho, nozuzwe ngemali yakho; umnqophiso wam enyameni yenu uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade.

17:14b.GEN.017.014 Into eyindoda engalukileyo, enyama yokwaluswa ingaluswanga, loo mphefumlo mawunqanyulwe, ungabikho ebantwini bakowawo; uwaphule umnqophiso wam.

17:15b.GEN.017.015 Wathi uThixo kuAbraham, USarayi umkakho akuyi kumbiza ngegama lokuba nguSarayi; igama lakhe loba nguSara.

17:16b.GEN.017.016 Ndiya kumsikelela; kananjalo ndikunike unyana ngaye, ndimsikelele, abe ziintlanga, kuphume ookumkani bezizwe kuye.

17:17b.GEN.017.017 UAbraham wawa ngobuso bakhe, wahleka, wathi entliziyweni yakhe, Azi umntu ominyaka ilikhulu wozalelwa na? Azi uSara, intokazi eminyaka imashumi asithoba, angazala na?

17:18b.GEN.017.018 Wathi uAbraham kuThixo, Wanga uIshmayeli angadla ubomi phambi kwakho!

17:19b.GEN.017.019 Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho uya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake; ndiwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe.

17:20b.GEN.017.020 Ngokusingisele kuIshmayeli ndikuvile; uyabona, ndimsikelele, ndimqhamisile, ndimandisile kakhulu kunene. Uya kuzala izikhulu ezilishumi elinazibini, ndimenze uhlanga olukhulu.

17:21b.GEN.017.021 Umnqophiso wam wona ndowumisa noIsake, oya kumzalelwa nguSara ngeli xesha nyakenye.

17:22b.GEN.017.022 Wagqiba ukuthetha naye. Wenyuka uThixo esuka kuAbraham.

17:23b.GEN.017.023 UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalusa inyama yokwaluswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye.

17:24b.GEN.017.024 UAbraham ebeminyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa.

17:25b.GEN.017.025 UIshmayeli, unyana wakhe, ebeminyaka ilishumi elinamithathu ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa.

17:26b.GEN.017.026 Kwangaloo mini waluswa uAbraham, noIshmayeli unyana wakhe.

17:27b.GEN.017.027 Nawo onke amadoda endlu yakhe, azalelwe endlwini yakhe, nazuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, aluswa kunye naye.

18

18:1b.GEN.018.001 UYehova wabonakala kuye eMiokini kaMamre, ehleli emnyango wentente, ekufudumaleni kwemini.

18:2b.GEN.018.002 Wawaphakamisa amehlo akhe, wabona, nango amadoda amathathu emi ngakuye. Wabona, wagidima, eya kuwa khawulela, esuka emnyango wentente.

18:3b.GEN.018.003 Waqubuda emhlabeni, wathi, Nkosi yam, ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, musa ukudlula umke kumkhonzi wakho.

18:4b.GEN.018.004 Makhe kuthatyathwe intwana yamanzi, nihlambe iinyawo zenu, ningqengqe phantsi komthi lo;

18:5b.GEN.018.005 ndithabathe iqhekeza lesonka, nixhase iintliziyo zenu; kamva nodlula; kuba nize kudlula ngenxa yoko kumkhonzi wenu. Athi, Yenza ngoko uthethe ngako.

18:6b.GEN.018.006 Wakhawuleza uAbraham, waya ententeni kuSara, wathi, Khawuleza, uxovule iiseha ezintathu zomgubo ocoliweyo, wenze amaqebengwana ezonka.

18:7b.GEN.018.007 Wagidima waya ezinkomeni uAbraham, wathabatha ithole lenkomo, lithambile, lilungile, wanika umfana, wakhawuleza ukulilungisa.

18:8b.GEN.018.008 Wathabatha amasi, nobisi, nethole lenkomo abelilungisile, wabeka phambi kwawo, wema ngakuwo phantsi komthi lowo, adla.

18:9b.GEN.018.009 Athi kuye, Uphi na uSara umkakho?

18:10b.GEN.018.010 Wathi, Nanko ententeni. Yathi, Ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha; yabona, uSara umkakho uya kuba nonyana. Weva uSara esemnyango wentente, wona esemva kwayo.

18:11b.GEN.018.011 Ke kaloku uAbraham noSara babesebaluphele, sebekhulile; kusekunqamkile kuSara okwendlela yabafazi.

18:12b.GEN.018.012 USara wahleka ngaphakathi kwakhe, esithi, Emveni kokuba ndihagele, ndisaya kuyolelwa na, nenkosi yam yaluphele nje?

18:13b.GEN.018.013 Wathi uYehova kuAbraham, Yini na ukuba uSara ahleke, esithi, Kuhleliwe nje ndiya kuzala na ndaluphele nje mna?

18:14b.GEN.018.014 Kukho nto ingamnqabelayo na uYehova? Ngexesha elimisiweyo ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha, uSara abe nonyana.

18:15b.GEN.018.015 Wakhanyela uSara, esithi, Andihlekanga; kuba ebesoyika. Wathi yena, Hayi, uhlekile.

18:16b.GEN.018.016 Asuka ke amadoda lawo ondela eSodom; uAbraham ehamba nawo, ewaphelekelela.

18:17b.GEN.018.017 Wathi uYehova, Ndomfihlela na uAbraham into endiza kuyenza?

18:18b.GEN.018.018 Kanti uAbraham uya kuthi abe luhlanga olukhulu, olunamandla, zisikeleleke ngaye iintlanga zonke zehlabathi.

18:19b.GEN.018.019 Kuba ndaze yena, ukuze abawisele umthetho abantwana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ubulungisa nokusesikweni, ukuze uYehova amenzele uAbraham into ayithethileyo kuye.

18:20b.GEN.018.020 Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje,

18:21b.GEN.018.021 ndiya kukha ndihle, ndikhangele ukuba baphelelisile na ngokwesikhalo sayo esifikileyo kum; ukuba akunjalo, ndazi.

18:22b.GEN.018.022 Ajika apho amadoda lawo, asinga eSodom; ke yena uAbraham wayesemi phambi koYehova.

18:23b.GEN.018.023 Wasondela uAbraham, wathi, Ungade ubhebhethe olilungisa kunye nongendawo yini na?

18:24b.GEN.018.024 Hi, kwakho amashumi amahlanu amalungisa phakathi komzi; ungade uyibhebhethe, ungayixoleli, loo ndawo yini na, ngenxa yamalungisa amashumi mahlanu akuyo?

18:25b.GEN.018.025 Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?

18:26b.GEN.018.026 Wathi uYehova, Ukuba ndithe ndafumana eSodom amalungisa amashumi mahlanu phakathi komzi, ndoyixolela yonke loo ndawo ngenxa yawo.

18:27b.GEN.018.027 Waphendula uAbraham, wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini, ndiluthuli nothuthu.

18:28b.GEN.018.028 Hi ke, kwasweleka isihlanu kumalungisa amashumi mahlanu, wowonakalisa ngenxa yesihlanu yini na wonke umzi? Yathi, Andiyi kuwonakalisa, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omane anesihlanu.

18:29b.GEN.018.029 Waphinda kanjalo wathetha kuye, wathi, Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omane? Yathi, Andiyi kukwenza ngenxa yamashumi omane.

18:30b.GEN.018.030 Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khe ndithethe. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omathathu? Yathi, Andiyi kukwenza, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omathathu.

18:31b.GEN.018.031 Wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omabini? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yamashumi omabini.

18:32b.GEN.018.032 Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khendithethe esi sihlandlo sodwa. Hi ke, kwafunyanwa khona ishumi elinye? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yeshumi elinye.

18:33b.GEN.018.033 Wemka uYehova, akugqiba ukuthetha kuAbraham; uAbraham wabuyela endaweni yakhe.

19

19:1b.GEN.019.001 Zafika izithunywa ezo zozibini eSodom ngokuhlwa, uLote ehleli esangweni leSodom. ULote wazibona, wesuka waya kuzikhawulela, waqubuda ngobuso emhlabeni.

19:2b.GEN.019.002 Wathi, Khanibone, zinkosi zam! Khaniphambukele endlwini yomkhonzi wenu, nilale, nihlambe iinyawo zenu, nivuke kusasa, nihambe indlela yenu. Zathi, Hayi, solala esitratweni.

19:3b.GEN.019.003 Wazijoka kunene, zaphambukela kuye, zangena endlwini yakhe; wazenzela isidlo, woja nezonka ezingenagwele, zadla.

19:4b.GEN.019.004 Ke kaloku, zingekalali, amadoda aloo mzi, amadoda aseSodom, ayirhawula indlu, ethabathela kumfana esa kwixhego, bonke abantu bevela nasekupheleni kwawo.

19:5b.GEN.019.005 Bambiza uLote, bathi kuye, Aphi na amadoda angene kuwe ngobu busuku? Wakhuphele kuthi, siwazi.

19:6b.GEN.019.006 Waphuma uLote waya kubo emnyango, waluvala ucango emva kwakhe,

19:7b.GEN.019.007 wathi, Musani ukwenza into embi, bazalwana.

19:8b.GEN.019.008 Khanibone, ndineentombi ezimbini ezingazani nandoda; mandikhuphele zona kuni, nenze kuzo ngoko kulungileyo emehlweni enu. Ke kula madoda musani ukwenza nto, kuba angene ngenxa yoko emthunzini wophahla lwam.

19:9b.GEN.019.009 Bathi, Khwelela; batsho bathi, Lo wezayo ngokuphambukela uhlala egweba; ngoku sokuphatha kakubi wena kunawo. Besuka indulumbane phezu kwendoda uLote, basondela, beza kuluqhekeza ucango.

19:10b.GEN.019.010 Amadoda lawo asolula isandla sawo, amngenisa uLote kuwo endlwini, aluvala ucango.

19:11b.GEN.019.011 Awabetha ngobumfama amadoda abesemnyango wendlu, ethabathela kwencinane esa kwenkulu, azidinisa ke ukufuna umnyango.

19:12b.GEN.019.012 Athi amadoda lawo kuLote, Usenabani na apha? Umyeni, noonyana bakho, neentombi zakho, nabo bonke onabo kulo mzi, bakhuphe kule ndawo;

19:13b.GEN.019.013 ngokuba siya kuyonakalisa le ndawo, ngokuba sikhulu isikhalo sabo ebusweni bukaYehova. UYehova usithume ukuba siyonakalise.

19:14b.GEN.019.014 Waphuma, uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kuzeka iintombi zakhe, wathi, Sukani, niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Usuke waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe.

19:15b.GEN.019.015 Izithunywa zamngxamisa uLote ngesifingo, zathi, Vuka, thabatha umkakho, neentombi zakho zombini, aba banokufumaneka, hleze ubhebhethwe ngobugwenxa balo mzi.

19:16b.GEN.019.016 Wazilazila; amadoda abamba isandla sakhe, nesandla somkakhe, nesandla seentombi zakhe zombini; uYehova emvela, amkhupha, amyeka ngaphandle komzi.

19:17b.GEN.019.017 Akuba emkhuphele phandle, athi, Zisindise ngenxa yomphefumlo wakho. Musa ukubheka emva kwakho, musa ukuma kuwo wonke lo mmandla; zisindise ngokuya entabeni, hleze ubhebhethwe.

19:18b.GEN.019.018 Wathi kuwo uLote, Hayi, Nkosi yam.

19:19b.GEN.019.019 Khawubone, umkhonzi wakho umbabale. Uyikhulisile inceba yakho ondenzeleyo, ukuba uwusindise umphefumlo wam; mna ke andinako ukuzisindisa ngokuya entabeni, hleze ndinanyathelwe bububi, ndife.

19:20b.GEN.019.020 Khawubone, lo mzi ukufuphi, ukuba kubalekelwe kuwo, mncinane; ndanga ndingazisindisa ngokuya kuwo (awumncinane na?), usinde umphefumlo wam.

19:21b.GEN.019.021 Wathi kuye, Yabona, ndikunonelele nangale nto, ukuba ndingawubhukuqi lo mzi uthethe ngawo.

19:22b.GEN.019.022 Khawuleza, zisindise ngokuya khona, kuba andinakwenza nto ude ufike khona. Ngenxa yoko igama laloo mzi kwathiwa yiTsohare.

19:23b.GEN.019.023 Ilanga lalise liphumile phezu kwehlabathi, ukufika kukaLote eTsohare.

19:24b.GEN.019.024 Wanisa ke uYehova phezu kweSodom neGomora isulfure nomlilo ophuma kuYehova emazulwini;

19:25b.GEN.019.025 wayibhukuqa loo mizi, nawo wonke loo mmandla, nabo, bonke abemi baloo mizi, nesihlumo somhlaba.

19:26b.GEN.019.026 Kodwa umkakhe, esemva kwakhe, wakhangela ngasemva, waba yintsika yetyuwa.

19:27b.GEN.019.027 UAbraham wavuka kusasa, waya kuloo ndawo wayemi kuyo ebusweni bukaYehova.

19:28b.GEN.019.028 Wondela eSodom neGomora, nakulo lonke ilizwe laloo mmandla. Wakhangela; nango unyuka umsi welo zwe, njengomsi weziko lemfutho.

19:29b.GEN.019.029 Kwathi, xenikweni uThixo wayonakalisayo imizi yaloo mmandla, uThixo wamkhumbula uAbraham, wamkhupha uLote phakathi kobhukuqo olo, ekuyibhukuqeni imizi leyo abehleli kuyo uLote.

19:30b.GEN.019.030 Wenyuka uLote ephuma eTsohare, wahlala entabeni, eneentombi zakhe zombini, kuba ebesoyika ukuhlala eTsohare; wahlala emqolombeni, yena neentombi zakhe zombini.

19:31b.GEN.019.031 Yathi eyamazibulo kwencinane, Ubawo waluphele; akukho ndoda ezweni apha yokusingena ngokwendlela yehlabathi lonke;

19:32b.GEN.019.032 yiza, simseze ubawo iwayini, silale naye, sigcine imbewu ngobawo.

19:33b.GEN.019.033 Zamseza ke uyise iwayini ngobo busuku; yangena eyamazibulo, yalala noyise; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo.

19:34b.GEN.019.034 Kwathi ngengomso, yathi eyamazibulo kwencinane, Yabona, ndilele nobawo phezolo; masimseze iwayini nangobu busuku, ungene, ulale naye, ukuba sigcine imbewu ngobawo.

19:35b.GEN.019.035 Zamseza ke uyise iwayini nangobo busuku, yasuka, encinane yalala naye; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo.

19:36b.GEN.019.036 Zamitha zombini iintombi zikaLote ngoyise.

19:37b.GEN.019.037 Eyamazibulo yazala unyana, yambiza ngegama elinguMowabhi; yena nguyise wamaMowabhi unanamhla.

19:38b.GEN.019.038 Nencinane yazala unyana, yambiza ngegama elinguBhenami; yena nguyise wonyana baka-Amon unanamhla.

20

20:1b.GEN.020.001 Ke kaloku uAbraham wanduluka apho, waya ezweni lasezantsi, wahlala phakathi kweKadeshe neShure, waphambukela eGerare.

20:2b.GEN.020.002 Wathi uAbraham ngoSara umkakhe, Ngudade wethu. UAbhimeleki ukumkani waseGerare wathuma, wamthabatha uSara.

20:3b.GEN.020.003 Weza uThixo kuAbhimeleki ngephupha ebusuku, wathi kuye, Uyabona, ufile ngenxa yomfazi omthabathileyo; ngumkamntu.

20:4b.GEN.020.004 Ke uAbhimeleki ubengasondelanga kuye; wathi, Nkosi, nolunobulungisa uhlanga wolubulala, yini na?

20:5b.GEN.020.005 Akatshongo na yena kum ukuthi, Ngudade wethu, naye ngokwakhe wathi, Ngumnakwethu? Le nto ndiyenze ngentliziyo yam igqibelele, nangezandla zam zimsulwa.

20:6b.GEN.020.006 Wathi uThixo kuye ngephupha, Nam ndiyazi ukuba uyenze le nto ngentliziyo yakho igqibelele. Ndakunqanda nam, ukuba ungoni kum; ngenxa yoko andikuvumelanga ukuba umchukumise.

20:7b.GEN.020.007 Ngoko mbuyise umfazi wale ndoda, ngokuba ingumprofeti; yokuthandazela ukuba uphile; ukuba uthe akwambuyisa, yazi ukuba uya kufa, wena nabo bonke onabo.

20:8b.GEN.020.008 Wavuka kwakusasa uAbhimeleki, wababiza bonke abakhonzi bakhe, wawathetha onke la mazwi ezindlebeni zabo. Oyika kakhulu loo madoda.

20:9b.GEN.020.009 UAbhimeleki wambiza uAbraham, wathi kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi? Ndikone ngantoni na, ukuba mna nobukumkani bam isono esingaka? Wenze kum izenzo ezingezakwenziwa.

20:10b.GEN.020.010 Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ubone ntoni na, ukuba uyenze le nto?

20:11b.GEN.020.011 Wathi uAbraham, Ndithe, akukho kanye ukoyika uThixo kule ndawo; baya kundibulala ngenxa yomkam.

20:12b.GEN.020.012 Okwenene ngudade wethu; yintombi kabawo, kodwa akantombi kama, waba ngumkam ke.

20:13b.GEN.020.013 Kwathi, uThixo akundiphambukisa, andikhuphe endlwini kabawo, ndathi kuye, Nantsi inceba owondenzela yona: ezindaweni zonke esofika kuzo, uze uthi ngam, Ngumnakwethu.

20:14b.GEN.020.014 UAbhimeleki wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, nabakhonzi, nabakhonzazana, wanika uAbraham; wambuyisela uSara umkakhe kuye.

20:15b.GEN.020.015 Wathi uAbhimeleki, Nali ilizwe lam, liphambi kwakho; hlala apho kulungileyo emehlweni akho.

20:16b.GEN.020.016 Wathi kuSara, Yabona, umnakwenu ndimnike iwaka lesilivere; yabona, sisigqubuthelo samehlo kuwe, ngokusingisele kubo bonke aba nawe; naphakathi kwabo bonke ugwetyelwe.

20:17b.GEN.020.017 Wathandaza uAbraham kuThixo; uThixo wamphilisa uAbhimeleki, nomkakhe, nabakhonzazana bakhe, bazala.

20:18b.GEN.020.018 Ngokuba uYehova ubezivingcile kanye, zonke izizalo endlwini ka-Abhimeleki, ngenxa kaSara, umka-Abraham.

21

21:1b.GEN.021.001 Ke kaloku uYehova wamvelela uSara njengoko ebetshilo; uYehova wamenzela uSara njengoko abekuthethile.

21:2b.GEN.021.002 Wamitha ke uSara, wamzalela uAbraham unyana ekwaluphaleni kwakhe, ngexesha elimisiweyo abelithethile uThixo kuye.

21:3b.GEN.021.003 UAbraham wamthiya loo nyana wakho abemzalelwe, awamzalayo uSara, igama elinguIsake.

21:4b.GEN.021.004 UAbraham wamalusa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho.

21:5b.GEN.021.005 UAbraham ube eminyaka ilikhulu, ukuzalelwa kwakhe uIsake unyana wakhe.

21:6b.GEN.021.006 Wathi uSara, Undihlekisile uThixo; bonke abakuvayo oku baya kuhleka nam.

21:7b.GEN.021.007 Wathi, Ngubani na obengatsholo kuAbraham ukuthi, uSara wanyisa abantwana? Ngokuba ndimzalele unyana ekwaluphaleni kwakhe.

21:8b.GEN.021.008 Wakhula umntwana, walunyulwa; uAbraham wenza isidlo esikhulu mhlana walunyulwayo uIsake.

21:9b.GEN.021.009 USara wambona unyana kaHagare umYiputazana, awamzalela uAbraham, ehlekisa.

21:10b.GEN.021.010 Wathi kuAbraham, Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana walo mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake.

21:11b.GEN.021.011 Lalibi kunene elo zwi emehlweni ka-Abraham ngenxa yonyana wakhe.

21:12b.GEN.021.012 Wathi uThixo kuAbraham, Malingabi libi emehlweni akho ngenxa yenkwenkwe, nangenxa yomkhonzazana wakho. Entweni yonke ayithethileyo uSara kuwe, phulaphula izwi lakhe, ngokuba iya kuba ngoIsake lo imbewu kuwe.

21:13b.GEN.021.013 Kananjalo unyana womkhonzazana ndiya kumenza uhlanga, ngokuba eyimbewu yakho.

21:14b.GEN.021.014 Wavuka kusasa uAbraham, wathabatha isonka nentsuba yamanzi, wanika uHagare, ebeka emagxeni akhe, nenkwenkwe, wamndulula. Wemka ke, wandwendwela entlango yaseBher-shebha.

21:15b.GEN.021.015 Aphela amanzi entsubeni, wayiphosa inkwenkwe phantsi kwetyholo.

21:16b.GEN.021.016 Waya wahlala phantsi malunga nayo, umgama ongangowokutola ngotolo; kuba wathi, Mandingakuboni ukufa kwenkwenkwe. Wahlala phantsi malunga nayo ke, waphakamisa izwi lakhe, walila.

21:17b.GEN.021.017 Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe. Samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Unantoni na, Hagare? Musa ukoyika, ngokuba uThixo ulivile ilizwi lenkwenkwe apho ikhona.

21:18b.GEN.021.018 Suka ume, uyithabathe inkwenkwe, uyibambe ngesandla; kuba ndiya kuyenza uhlanga olukhulu.

21:19b.GEN.021.019 UThixo wawavula amehlo akhe, wabona iqula lamanzi; waya wayizalisa intsuba ngamanzi, wayiseza inkwenkwe.

21:20b.GEN.021.020 UThixo waba nenkwenkwe leyo; yakhula, yahlala entlango, yaba yintoli yakukhula, yahlala entlango yaseParan;

21:21b.GEN.021.021 unina wayithabathela umfazi ezweni laseYiputa.

21:22b.GEN.021.022 Kwathi ngelo xesha, wathetha uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, kuAbraham, esithi, UThixo unawe entweni yonke osukuba uyenza.

21:23b.GEN.021.023 Ngoko ndifungele uThixo apha, ukuba akuyi kundixokisa mna, noonyana bam, nenzalo yam; wothi ngokwenceba endiyenzileyo kuwe, wenze kum, nakwilizwe ophambukele kulo.

21:24b.GEN.021.024 Wathi uAbraham, Mna ndofunga.

21:25b.GEN.021.025 UAbraham wamohlwaya uAbhimeleki ngenxa yequla lamanzi elalihluthwe ngabakhonzi baka-Abhimeleki.

21:26b.GEN.021.026 Wathi uAbhimeleki, Bendingazi ukuba yenziwe ngubani na le nto; nawe ube ungandixelelanga; nam bendingayivanga, ndiyiva namhla.

21:27b.GEN.021.027 UAbraham wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, wanika uAbhimeleki, benza umnqophiso bobabini.

21:28b.GEN.021.028 UAbraham wamisa amathokazi ezimvu asixhenxe omhlambi, aba wodwa.

21:29b.GEN.021.029 Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ayintoni na la mathokazi ezimvu asixhenxe uwamisileyo odwa?

21:30b.GEN.021.030 Wathi, La mathokazi ezimvu asixhenxe wowathabatha esandleni sam, abe bubungqina bam bokuba ndilimbile eli qula.

21:31b.GEN.021.031 Ngenxa yoko kwathiwa loo ndawo yiBher-shebha; ngokuba kulapho bafungayo bobabini.

21:32b.GEN.021.032 Benza ke umnqophiso eBher-shebha. Wesuka uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, babuyela ezweni lamaFilisti.

21:33b.GEN.021.033 UAbraham watyala umtamariske eBher-shebha, walinqula khona igama likaYehova uThixo ongunaphakade.

21:34b.GEN.021.034 UAbraham waye engumphambukeli ezweni lamaFilisti imihla emininzi.

22

22:1b.GEN.022.001 Kwathi emveni kwezo nto, uThixo wamvavanya uAbraham, wathi kuye, Abraham; wathi yena, Ndilapha.

22:2b.GEN.022.002 Wathi, Khawuthabathe unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uhambe uye ezweni laseMoriya, umnyuse khona abe lidini elinyukayo phezu kwentaba endokuxelela yona.

22:3b.GEN.022.003 Wavuka uAbraham kusasa, walibopha iesile lakhe, wathabatha amabini kumadodana akhe, noIsake unyana wakhe, wacanda iinkuni zedini elinyukayo, wesuka waya endaweni abemxelele yona uThixo.

22:4b.GEN.022.004 Ngomhla wesithathu uAbraham wawaphakamisa amehlo akhe, wayibona loo ndawo ikude.

22:5b.GEN.022.005 Wathi uAbraham kumadodana akhe, Hlalani nina apha ne-esile; mna nomfana lo soya phaya, sinqule, sibuye size kuni.

22:6b.GEN.022.006 Wazithabatha uAbraham iinkuni zedini elinyukayo, wazibeka phezu koIsake unyana wakhe, waphatha umlilo ngesandla, nesitshetshe, bahamba bobabini ndawonye.

22:7b.GEN.022.007 Watsho uIsake kuAbraham uyise ukuthi, Bawo. Wathi yena, Ndilapha, nyana wam. Wathi, Nangu umlilo neenkuni; iphi na ke imvu yedini elinyukayo?

22:8b.GEN.022.008 Wathi uAbraham, UThixo wozibonela imvu yedini elinyukayo, nyana wam. Bahamba bobabini ndawonye.

22:9b.GEN.022.009 Bafika endaweni abemxelele yona uThixo, wakha khona uAbraham isibingelelo, wazicwangcisa iinkuni, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka esibingelelweni phezu kweenkuni.

22:10b.GEN.022.010 Wasolula uAbraham isandla sakhe, wathabatha isitshetshe, ukuba amsike unyana wakhe.

22:11b.GEN.022.011 Samemeza kuye isithunywa sikaYehova sisemazulwini, sathi, Abraham, Abraham.

22:12b.GEN.022.012 Wathi, Ndilapha. Sathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, kuba ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo; akunqabanga nonyana akho kum, emnye kuwe.

22:13b.GEN.022.013 UAbraham waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nantso inkunzi yegusha ngasemva, ibambeke ngeempondo etyholweni; waya uAbraham, wayithabatha inkunzi yegusha, wayinyusa ukuba ibe lidini elinyukayo esikhundleni sonyana wakhe.

22:14b.GEN.022.014 UAbraham wathi igama laloo ndawo linguYehova ozibonelayo ekuthiwa nanamhla, Entabeni abonakala kuyo uYehova.

22:15b.GEN.022.015 Samemeza isithunywa sikaYehova kuAbraham okwesibini sisemazulwini sathi,

22:16b.GEN.022.016 Ndizifungile, utsho uYehova, ngenxa enokuba uyenzile le nto, akwanqaba nonyana wakho, emnye kuwe:

22:17b.GEN.022.017 ukuba ndiya kukusikelela ndikusikelele; ndiya kuyandisa ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; imbewu yakho ilidle ilifa isango leentshaba zayo;

22:18b.GEN.022.018 zisikelelwe ngembewu yakho zonke untlanga zehlabathi, ngenxa enokuba uliphulaphule ilizwi lam.

22:19b.GEN.022.019 Wabuyela uAbraham kumadodana akhe, besuka baya bendawonye eBher-shebha, wahlala uAbraham eBher-shebha.

22:20b.GEN.022.020 Kwathi emva kwezi zinto, kwaxelwa kuAbraham kwathiwa, Yabona, uMilka ukwazele naye kuNahore, umninawa wakho, abantwana:

22:21b.GEN.022.021 u-Utse owamazibulo akhe, noBhuzi umninawa wakhe, noKemuweli uyise ka-Aram,

22:22b.GEN.022.022 noKesede, noHazo, noPildashe, noYidelafu, noBhetuweli

22:23b.GEN.022.023 (uBhetuweli ke wazala uRebheka); abo bosibhozo uMilka wamzalela uNahore, umninawa ka-Abraham.

22:24b.GEN.022.024 Ishweshwe lakhe, eligama linguRehuma, lazala nalo uTebha, noGaham, noTahashe, noMahaka.

23

23:1b.GEN.023.001 Ke kaloku ukudla ubomi kukaSara kwaba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini aneminyaka esixhenxe; yiyo iminyaka yokudla ubomi kukaSara.

23:2b.GEN.023.002 Wafa ke uSara eKiriyati ka-Arbha, eyiHebron, ezweni lakwaKanan. UAbraham waya kumbambazelela uSara nokumlilela.

23:3b.GEN.023.003 Wesuka uAbraham ebusweni bomfikazi lowo,

23:4b.GEN.023.004 wathetha koonyana bakaHeti, esithi, Ndingumphambukeli, ndilundwendwe kuni; ndinikeni ndibe nendawo yam yokungcwaba phakathi kwenu, ukuze ndimngcwabe umfikazi, angabikho phambi kwam.

23:5b.GEN.023.005 Bamphendula uAbraham oonyana bakaHeti, bathi kuye, Sive, nkosi yam!

23:6b.GEN.023.006 Usisikhulu sakwaThixo phakathi kwethu; kwelona linyulekayo kumangcwaba ethu, mngcwabe umfikazi lowo; akukho bani kuthi uya kwala nengcwaba lakhe, ukuba ungamngcwabi umfikazi lowo.

23:7b.GEN.023.007 Wesuka uAbraham, waqubuda kubantu belizwe elo, koonyana bakaHeti abo.

23:8b.GEN.023.008 Wathetha nabo esithi, Ukuba kusemphefumlweni wenu, ukuba ndimngcwabe umfikazi, angabikho phambi kwam, ndiveni, nindibongozele kuEfron, unyana kaTsohare,

23:9b.GEN.023.009 ukuba andinike umqolomba waseMakapela, lowo anawo, osekupheleni kwentsimi yakhe, andinike wona ngemali ezalisekileyo; ube yindawo yam yokungcwaba phakathi kwenu.

23:10b.GEN.023.010 UEfron wayehleli phakathi koonyana bakaHeti; uEfron umHeti wamphendula uAbraham ezindlebeni zoonyana bakaHeti, zabo bonke abangenayo ngesango lomzi wakhe, esithi, Hayi, nkosi yam, ndive!

23:11b.GEN.023.011 Intsimi leyo ndiyakunika, nomqolomba okuyo ndiyakunika; emehlweni oonyana babantu bakowethu ndiyakunika; ngcwaba umfikizi loo.

23:12b.GEN.023.012 Waqubuda uAbraham phambi kwabantu belizwe elo.

23:13b.GEN.023.013 Wathetha kuEfron ezindlebeni zabantu belizwe elo, wathi, Wanga ungandiva; ndikunika imali ngentsimi; yithabathe kum, ndingcwabe umfikazi khona.

23:14b.GEN.023.014 UEfron wamphendula uAbraham, wathi kuye,

23:15b.GEN.023.015 Nkosi yam, ndive! Umhlaba ngoweeshekele zesilivere ezimakhulu mane. Yintoni na loo nto phakathi kwam nawe? Ngcwaba ke umfikazi lowo.

23:16b.GEN.023.016 UAbraham wamphulaphula uEfron; uAbraham wamlinganisela uEfron isilivere leyo, abethethe ngayo ezindlebeni zoonyana bakaHeti, amakhulu omane eeshekele zesilivere evunywayo ngumrhwebi.

23:17b.GEN.023.017 Yaqiniseka ke intsimi kaEfron eseMakapela ephambi kowakwaMamre, intsimi leyo nomqolomba okuyo, nemithi yonke esentsimini, ekuyo yonke imilimandlela ngeenxa zonke.

23:18b.GEN.023.018 Yaba yinzuzo kuAbraham emehlweni oonyana bakaHeti, kubo bonke abangenayo ngesango lomzi wakhe.

23:19b.GEN.023.019 Emveni koko uAbraham wamngcwaba uSara umkakhe emqolombeni wentsimi yaseMakapela phambi kowakwaMamre, kowaseHebron leyo, ezweni lakwaKanan.

23:20b.GEN.023.020 Yaqiniseka ke intsimi leyo nomqolomba okuyo kuAbraham, ukuze abe nendawo yakhe yokungcwaba, ngoonyana bakaHeti.

24

24:1b.GEN.024.001 Ke kaloku uAbraham ebaluphele, eselekhulile ebudaleni; uYehova waye emsikelele ke uAbraham ezintweni zonke.

24:2b.GEN.024.002 Wathi uAbraham kumkhonzi wakhe, oyena mkhulu endlwini yakhe, obelawula zonke izinto abenazo, Khawubeke isandla sakho phantsi kwethanga lam,

24:3b.GEN.024.003 ndikufungise uYehova uThixo wamazulu, uThixo wehlabathi, ukuba akuyi kumzekela unyana wam umfazi ezintombini zamaKanan, endihleli phakathi kwawo;

24:4b.GEN.024.004 ukuba woya ezweni lakowethu, nakwelokuzalwa kwam, umzekele unyana wam uIsake umfazi.

24:5b.GEN.024.005 Wathi umkhonzi kuye, Hi ke, ayavuma inkazana ukundilandela ukuza kweli lizwe, ndombuyisela na unyana wakho kwelo zwe waphuma kulo wena?

24:6b.GEN.024.006 Wathi uAbraham kuye, Zilumkele ungambuyiseli unyana wam khona.

24:7b.GEN.024.007 UYehova, uThixo wamazulu, owandithabathayo endlwini kabawo, ezweni lokuzalwa kwam, owathethayo kum, owandifungelayo esithi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe, yena wosithuma isithunywa sakhe phambi kwakho, umzekele umfazi unyana wam khona.

24:8b.GEN.024.008 Ukuba ke inkazana leyo ithe ayavuma ukukulandela, woba ukhululekile kwesi sifungo sam; kodwa uze ungambuyiseli unyana wam khona.

24:9b.GEN.024.009 Wasibeka umkhonzi isandla sakhe ngaphantsi kwethanga lika-Abraham inkosi yakhe, wamfungela loo nto.

24:10b.GEN.024.010 Umkhonzi wathabatha unkamela ezilishumi kwunkamela zenkosi yakhe, wemka enezinto zonke ezilungileyo zenkosi yakhe esandleni sakhe, wesuka waya kwa-Aram, phakathi kweMilambo, emzini kaNahore.

24:11b.GEN.024.011 Waziguqisa iinkamela ngaphandle komzi, ngasequleni lamanzi, ngexa langokuhlwa, ngexa lokuphuma kwabakhi bamanzi.

24:12b.GEN.024.012 Wathi, Yehova, Thixo wenkosi yam uAbraham, mawundithamsanqele namhla, uyenzele inkosi yam uAbraham inceba.

24:13b.GEN.024.013 Yabona, ndimi ngasemthonjeni wamanzi; untombi zabantu balo mzi ziyaphuma, ziza kukha amanzi.

24:14b.GEN.024.014 Ke intombi endothi kuyo, Khawuthobe umphanda wakho ndisele; ize ithi, Sela, neenkamela zakho ndoziseza nazo: mayibe yiyo oyimisele umkhonzi wakho uIsake; ndazi mna ngoko, ukuba uyenzele inkosi yam inceba.

24:15b.GEN.024.015 Kwathi, ingekagqibi ukuthetha, gqi uRebheka esiza, lowo wazalwayo nguBhetuweli, unyana kaMilka, umkaNahore, umninawa ka-Abraham, enomphanda wakhe egxalabeni lakhe.

24:16b.GEN.024.016 Intombi leyo ibe intle kunene imbonakalo, intombi eyintombi, engaziwanga ndoda; yehla, yeza emthonjeni, yawuzalisa umphanda wayo, yenyuka.

24:17b.GEN.024.017 Wagidima umkhonzi waya kuyikhawulela, wathi, Ndiphe ndisele intwana yamanzi emphandeni wakho.

24:18b.GEN.024.018 Yathi, Sela, nkosi yam. Yakhawuleza, yawuhlisela esandleni umphanda wayo, yamseza.

24:19b.GEN.024.019 Yakugqiba ukumseza, yathi, Neenkamela zakho ndiya kuzikhelela, zide zigqibe ukusela.

24:20b.GEN.024.020 Yakhawuleza, yawugalela umphanda wayo emkhombeni wokuseza, yagidima yaya kukha futhi equleni, yazikhelela zonke unkamela zakhe.

24:21b.GEN.024.021 Indoda leyo yee nqa yiyo, ithe cwaka, ukuze yazi ukuba uYehova uyiphumelelisile indlela yayo, akayiphumelelisanga, kusini na.

24:22b.GEN.024.022 Kwathi, iinkamela zigqibile ukusela, indoda leyo yathabatha ijikazi lempumlo legolide, elisisiqingatha seshekele ubunzima balo, nezacholo zozibini zokufakwa ezandleni, eziziishekele ezilishumi zegolide ubunzima bazo; yathi, Uyintombi kabani na wena?

24:23b.GEN.024.023 Khawundixelele; kukho ndawo na yokulala endlwini kayihlo?

24:24b.GEN.024.024 Yathi kuye, Ndiyintombi kaBhetuweli, unyana kaMika, awamzalela uNahore.

24:25b.GEN.024.025 Yathi kuye, Sinawo umququ kwaneendiza ezaneleyo, nendawo yokulala.

24:26b.GEN.024.026 Yathoba indoda leyo, yaqubuda kuYehova.

24:27b.GEN.024.027 Yathi, Makabongwe uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ongayiyekelelanga inceba yakhe nenyaniso yakhe, imke enkosini yam: uthe ndisendleleni, uYehova wandikhokelela endlwini yabazalwana benkosi yam.

24:28b.GEN.024.028 Yakhawuleza intombi leyo, yaxelela indlu kanina ngokwala mazwi.

24:29b.GEN.024.029 URebheka waye enomnakwabo, ogama linguLabhan waya endodeni leyo ngaphandle emthonjeni.

24:30b.GEN.024.030 Ke kwathi, akulibona ijikazi lempumlo, nezacholo ezandleni zodade wabo, wathi, akuweva amazwi kaRebheka udade wabo, esithi, Yenjenje indoda le ukuthetha kum: waya kuyo indoda, nantso imi ngasezinkameleni ngasemthonjeni.

24:31b.GEN.024.031 Wathi, Yiza, wena usikelelweyo nguYehova; umeleni na ngaphandle? Mna ndiyilungisile indlu nendawo yeenkamela.

24:32b.GEN.024.032 Yangena indoda leyo endlwini, wazikhulula iinkamela zayo; iinkamela wazinika umququ neendiza, wayinika amanzi okuhlamba iinyawo zayo, neenyawo zamadoda abenayo.

24:33b.GEN.024.033 Kwabekwa ukudla phambi kwayo. Yathi yona, Andiyi kudla, ndide ndilithethe ilizwi lam. Wathi, Thetha.

24:34b.GEN.024.034 Yathi, Ndingumkhonzi ka-Abraham.

24:35b.GEN.024.035 UYehova uyisikelele kunene inkosi yam; wayikhulisa, wayinika imphahla emfutshane, neenkomo, nesilivere, negolide, nabakhonzi, nabakhonzazana, neenkamela, namaesile.

24:36b.GEN.024.036 Ke uSara, umfazi wankosi yam, wayizalela inkosi yam unyana, emveni kokuba iseyaluphele. Imnike zonke izinto enazo.

24:37b.GEN.024.037 Yandifungisa ke inkosi yam, isithi, Unyana wam uze ungamzekeli umfazi ezintombini zamaKanan, endihleli ezweni lawo mna.

24:38b.GEN.024.038 Suka uye endlwini kabawo emizalwaneni yakowethu, umzekele unyana wam umfazi.

24:39b.GEN.024.039 Ndathi enkosini yam, Hi ke ayandilandela inkazana leyo?

24:40b.GEN.024.040 Yathi kum, UYehova, endihamba phambi kwakhe, wosithuma isithunywa sakhe siye nawe, ayenze ibe nempumelelo indlela yakho, umzekele unyana wam umfazi emizalwaneni yakowethu, nasendlwini kabawo;

24:41b.GEN.024.041 wandule ukuba msulwa esifungweni sam xa ufikileyo emizalwaneni yakowethu; ukuba abathanga bakunike, woba msulwa esifungweni sam.

24:42b.GEN.024.042 Ndifikile ke namhlanje emthonjeni, ndathi, Yehova, Thixo wenkosi yam uAbraham, ukuba kaloku uyenze yanempumelelo indlela yam endihamba ngayo,

24:43b.GEN.024.043 yabona, ndimi ngasemthonjeni wamanzi; ke intombi ephuma isiza kukha, ndithi kuyo, Khawundiphe ndisele intwana yamanzi emphandeni wakho;

24:44b.GEN.024.044 ithi kum, Sela wena, neenkamela zakho ndozikhelela nazo: mayibe yiyo engumfazi uYehova ammiseleyo unyana wenkosi yam.

24:45b.GEN.024.045 Ndingekagqibi mna ukuthetha entliziyweni yam, gqi uRebheka, esiza enomphanda egxalabeni lakhe, wehla waya emthonjeni, wakha; ndathi kuye, Khawundiphe ndisele.

24:46b.GEN.024.046 Wakhawuleza, wawuhlisa umphanda wakhe kuye, wathi, Sela, neenkamela zakho ndoziseza. Ndasela ke, waziseza neenkamela.

24:47b.GEN.024.047 Ndambuza ndathi, Uyintombi kabani na? Wathi, Ndiyintombi kaBhetuweli, unyana kaNahore, lowo wamzalelwa nguMilka. Ndamfaka ke ijikazi lempumlo ethatheni lakhe, nezacholo ezandleni zakhe.

24:48b.GEN.024.048 Ndathoba, ndamnqula uYehova, ndambonga uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ondikhokeleyo endleleni eyinyaniso, ukuba ndimzekele unyana wakhe intombi yomzalwana wenkosi yam.

24:49b.GEN.024.049 Ngoku ke, ukuba niyayenzela inceba nenyaniso inkosi yam, ndixeleleni; ukuba anenjenjalo, ndixeleleni; ukuze ndibheke ekunene, nokuba kusekhohlo.

24:50b.GEN.024.050 Waphendula uLabhan noBhetuweli, bathi, Le nto iphuma kuYehova; asinakuthetha nto kuwe, nokuba yembi nokuba yelungileyo.

24:51b.GEN.024.051 Nanko uRebheka phambi kwakho. Mthabathe, uhambe, abe ngumfazi wonyana wenkosi yakho, njengoko akuthethileyo uYehova.

24:52b.GEN.024.052 Kwathi, akuweva umkhonzi ka-Abraham amazwi abo, waqubuda emhlabeni kuYehova.

24:53b.GEN.024.053 Umkhonzi wavelisa impahla yesilivere, nempahla yegolide, nezambatho, wanika uRebheka; wanika umnakwabo nonina izinto ezinconywayo.

24:54b.GEN.024.054 Badla, basela, yena namadoda abenaye, balala, bavuka kusasa, wathi, Ndindululeni ndiye enkosini yam.

24:55b.GEN.024.055 Wathi umnakwabo nonina, Makhe ihlale intombi nathi iintsuku nokuba zilishumi, ihambe ke emveni koko.

24:56b.GEN.024.056 Wathi kubo, Musani ukundibambezela; uYehova uyenze yanempumelelo indlela yam; ndindululeni ndiye enkosini yam.

24:57b.GEN.024.057 Bathi, Masiyibize intombi, sive ngomlomo wayo.

24:58b.GEN.024.058 Bambiza uRebheka, bathi kuye, Uya kuhamba na nale ndoda? Wathi, Ndohamba.

24:59b.GEN.024.059 Bamndulula ke uRebheka udade wabo, nomanyisikazi wakhe, nomkhonzi ka-Abraham, namadoda abenaye.

24:60b.GEN.024.060 Bamsikelela uRebheka, bathi kuye, Ungudade wethu; yiba ngamawaka-waka, imbewu yakho ilidle ilifa isango labo bayithiyayo.

24:61b.GEN.024.061 Wesuka uRebheka nomthinjana wakhe, bakhwela ezinkameleni, balandela emva kwendoda leyo. Umkhonzi wamthabatha ke uRebheka, wemka.

24:62b.GEN.024.062 Ke kaloku uIsake weza ngendlela evela equleni likaPhila-ebonile; kuba ebemi ezweni lasezantsi.

24:63b.GEN.024.063 Waphuma uIsake, waya kucamngca entsimini, xa kuhlwayo; wawaphakamisa amehlo akhe, wabona nanzo iinkamela zisiza.

24:64b.GEN.024.064 URebheka wawaphakamisa amehlo akhe, wambona uIsake, waziphosa phantsi, wehla enkameleni.

24:65b.GEN.024.065 Wathi kumkhonzi, Ngubani na laa mfo uhambayo entsimini, esiza kusikhawulela? Wathi umkhonzi, Yinkosi yam. Wathabatha ke isigqubuthelo, wazigqubuthela.

24:66b.GEN.024.066 Umkhonzi wamxelela uIsake izinto zonke abezenzile.

24:67b.GEN.024.067 UIsake wamsa ententeni kaSara unina, wamzeka uRebheka, waba ngumkakhe; wamthanda. UIsake wathuthuzeleka ke ngenxa yonina.

25

25:1b.GEN.025.001 Wabuya uAbraham wazeka umfazi; igama lakhe lalinguKetura.

25:2b.GEN.025.002 Wamzalela uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshibhaki, noShuwa.

25:3b.GEN.025.003 UYokeshan wazala uShebha noDedan; oonyana bakaDedan bebengama-Asiriya, namaLetushi, namaLehum.

25:4b.GEN.025.004 Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.

25:5b.GEN.025.005 UAbraham wazinika uIsake zonke izinto abenazo.

25:6b.GEN.025.006 Ke oonyana bamashweshwe, abenawo uAbraham, wabanika izipho uAbraham; wabandulula, bemka kuIsake unyana wakhe, esekho, basinga empumalanga, ezweni lasempumalanga.

25:7b.GEN.025.007 Yiyo le imihla yeminyaka yokudla ubomi kuka-Abraham awayidlayo; yiminyaka elikhulu elinamanci asixhenxe aneminyaka emihlanu.

25:8b.GEN.025.008 UAbraham waphuma umphefumlo, wafa, eyingwevu enkulu, aluphele, ephele ebudaleni; wahlanganiselwa kwabakowabo.

25:9b.GEN.025.009 OoIsake noIshmayeli, oonyana bakhe, bamngcwaba emqolombeni waseMakapela, entsimini kaEfron unyana kaTsohare, umHeti, phambi kowakwaMamre,

25:10b.GEN.025.010 entsimini leyo wayithengayo uAbraham kooyana bakaHeti. Ungcwatyelwe khona uAbraham, noSara umkakhe.

25:11b.GEN.025.011 Kwathi, emveni kokufa kuka-Abraham, uThixo wamsikelela uIsake unyana wakhe; uIsake wahlala ngasequleni likaPhila-ebonile.

25:12b.GEN.025.012 Yiyo le ke inzala kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, awathi uHagare umYiputazana, umkhonzazana kaSara, wamzalela uAbraham.

25:13b.GEN.025.013 Ngawo la amagama oonyana bakaIshmayeli, ngamagama abo ngokwenzala yabo: owamazibulo kaIshmayeli nguNebhayoti, noKedare, noAdebhele, noMibhesam,

25:14b.GEN.025.014 noMishma, noDuma, noMasa;

25:15b.GEN.025.015 uHadade, noTema, noYeture, noNafishi, noKedema.

25:16b.GEN.025.016 Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli, ngawo lawo amagama abo ngemizi yabo, nangeengqili zabo, izikulu ezilishumi elinazibini ngokwezizwe zazo.

25:17b.GEN.025.017 Yiyo le iminyaka yokudla ubomi kukaIshmayeli: iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, aneminyaka esixhenxe. Waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo.

25:18b.GEN.025.018 Bema bethabathela eHavila besa eShure, phambi kweYiputa, ukusinga kwelakwa-Asiriya. Wazihlalisa ebusweni babo bonke abazalwana bakhe.

25:19b.GEN.025.019 Yiyo le ke inzala kaIsake, unyana ka-Abraham. UAbraham wazala uIsake.

25:20b.GEN.025.020 UIsake waye eminyaka ingamashumi omane ezelwe, ukuzeka kwakhe uRebheka, intombi kaBhetuweli, umAram wasePadan-aram, udade boLabhan umAram, ukuba abe ngumkakhe.

25:21b.GEN.025.021 Wathandaza uIsake kuYehova mayela nomkakhe, ngokuba ebengazali. Wathandazeka uYehova, wamitha uRebheka umkakhe.

25:22b.GEN.025.022 Batyahalana abantwana embilini wakhe, wathi, Ukuba unjalo, yini na ukuba ndibe nje? Waya kubuza kuYehova.

25:23b.GEN.025.023 Wathi uYehova kuye, Zimbini iintlanga esizalweni sakho; Kuya kwahluka zizwe zibini esiswini sakho, Esinye somelele ngaphezu kwesinye; Omkhulu uya kukhonza omnci.

25:24b.GEN.025.024 Yazaliseka ke imihla yakhe yokuzala, nanko, ingamawele esizalweni sakhe.

25:25b.GEN.025.025 Laphuma elokuqala lingqombela, lonke liphela njengengubo exhonti; balithiya igama elinguEsawu.

25:26b.GEN.025.026 Emveni koko kwaphuma umninawa walo, isandla sakhe sibambe isithende sikaEsawu, wamthiya igama elinguYakobi. UIsake wayeminyaka imashumi mathandathu ezelwe, ukuzalwa kwabo.

25:27b.GEN.025.027 Akhula ke amakhwenkwe; uEsawu waba lizingela, indoda yasendle; uYakobi waba yindoda egqibeleleyo, ihleli ezintenteni.

25:28b.GEN.025.028 UIsake wathanda uEsawu, ngokuba inyamakazi ibimnandi emlonyeni wakhe; ke yena uRebheka wathanda uYakobi.

25:29b.GEN.025.029 UYakobi wayepheke ukudla; wafika uEsawu evela ezindle, etyhafile.

25:30b.GEN.025.030 Wathi uEsawu kuYakobi, Khawundiphe ndiginye kwinto engqombela, loo nto ingqombela, kuba ndityhafile; ngenxa yoko kwathiwa igama lakhe nguEdom.

25:31b.GEN.025.031 Wathi uYakobi, Thengisa namhlanje ngobuzibulo bakho kum.

25:32b.GEN.025.032 Wathi uEsawu, Yabona, ndiza kufa; buyintoni na kum ubuzibulo?

25:33b.GEN.025.033 Wathi uYakobi, Ndifungele namhlanje. Wamfungela; wathengisa ke ngobuzibulo bakhe kuYakobi.

25:34b.GEN.025.034 UYakobi wamnika uEsawu isonka neentlumayo eziphekiweyo; wadla, wasela, wesuka wemka; wabudela ke uEsawu ubuzibulo bakhe.

26

26:1b.GEN.026.001 Kwabakho indlala ezweni, ngaphandle kweyokuqala indlala, eyayikho ngemihla ka-Abraham; waya uIsake kuAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, eGerare.

26:2b.GEN.026.002 UYehova wabonakala kuye, wathi, Musa ukuhla uye eYiputa; ima ezweni endiya kukuxelela lona.

26:3b.GEN.026.003 Phambukela kweli zwe. Ndoba nawe, ndikusikelele; kuba ndiya kuwanika wena nembewu yakho onke la mazwe, ndisimise isifungo endasifungayo kuAbraham uyihlo;

26:4b.GEN.026.004 ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, ndiyinike imbewu yakho onke la mazwe, zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi;

26:5b.GEN.026.005 ngenxa enokuba uAbraham waliphulaphulayo izwi lam, wasigcina isigxina sam, nemithetho yam, nemimiselo yam, nemiyalelo yam.

26:6b.GEN.026.006 Wahlala uIsake eGerare.

26:7b.GEN.026.007 Abuza amadoda aloo ndawo ngomkakhe. Wathi, Ngudade wethu; kuba ebesoyika ukuthi, Ngumkam; hleze ambulale amadoda ale ndawo ngenxa kaRebheka, ngokuba ebemhle imbonakalo.

26:8b.GEN.026.008 Kwathi, akubon’ ukuba ulibele umzuzu khona, wondela uAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, ngefestile; wakhangela, nanko, uIsake edlala noRebheka umkakhe.

26:9b.GEN.026.009 UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi, Yabona, inene ngumkakho lo; ungathini na ukuthi, Ngudade wethu? Wathi uIsake kuye, Bendisithi, hleze ndife ngenxa yakhe.

26:10b.GEN.026.010 Wathi uAbhimeleki, Yini na ukuba wenze le nto kuthi? Othile ebantwini ebengathi alale nomkakho, ube usizisele ityala.

26:11b.GEN.026.011 UAbhimeleki wawisela bonke abantu umthetho wokuthi, Lowo uyichukumisayo le ndoda nomkayo wobulawa afe.

26:12b.GEN.026.012 UIsake wahlwayela kwelo zwe, wazuza ngaloo mnyaka imilinganiso elikhulu; uYehova wamsikelela.

26:13b.GEN.026.013 Yaba nkulu indoda leyo, yaya ikhula ngokukhula, yada yaba nkulu kunene.

26:14b.GEN.026.014 Yaba nemfuyo yempahla emfutshane, nemfuyo yeenkomo, nabakhonzi abaninzi; ayimonela amaFilisti.

26:15b.GEN.026.015 Onke amaqula, ababewambile abakhonzi bakayise ngemihla ka-Abraham uyise, awavingca amaFilisti, awadibelela ngomhlaba.

26:16b.GEN.026.016 Wathi uAbhimeleki kuIsake, Mka kuthi, ngokuba usuke waba namandla amakhulu kunathi.

26:17b.GEN.026.017 UIsake wemka ke apho, wamisa iintente esihlanjeni saseGerare, wahlala khona.

26:18b.GEN.026.018 Wabuya uIsake wawamba amaqula amanzi, ababewambile ngemihla ka-Abraham uyise, abevingciwe ngamaFilisti emveni kokufa kuka-Abraham; wawabiza ngamagama abewabize ngawo uyise.

26:19b.GEN.026.019 Bemba abakhonzi bakaIsake esihlanjeni eso, bafumana khona iqula lamanzi aphilileyo.

26:20b.GEN.026.020 Abalusi baseGerare babambana nabalusi bakaIsake, besithi, Ngawethu la manzi; wathi igama lequla elo yiEseke, kuba babezamana naye.

26:21b.GEN.026.021 Bemba elinye iqula, babambana nangalo, wathi igama lalo yiSitena.

26:22b.GEN.026.022 Wesuka khona wemba elinye iqula; ababambananga ngalo, wathi igama lalo yiRehobhoti. Wathi, Inene, ngoku uYehova usenzele indawo ebanzi, ukuze siqhame ezweni apha.

26:23b.GEN.026.023 Wenyuka wemka khona, waya eBher-shebha.

26:24b.GEN.026.024 UYehova wabonakala kuye ngobo busuku, wathi, NdinguThixo ka-Abraham uyihlo. Musa ukoyika, kuba ndinawe; ndiya kukusikelela, ndiyandise imbewu yakho, ngenxa ka-Abraham, umkhonzi wam.

26:25b.GEN.026.025 Wakha khona isibingelelo, wanqula igama likaYehova, wayimisa khona intente yakhe; abakhonzi bakaIsake bemba khona iqula.

26:26b.GEN.026.026 Ke kaloku uAbhimeleki weza kuye ephuma eGerare, noAhuzati, isihlobo sakhe, noFikolo, umthetheli womkhosi wakhe.

26:27b.GEN.026.027 Wathi uIsake kubo, Nizeleni na kum, nandithiyayo nje, nandindulula kuni?

26:28b.GEN.026.028 Bathi, Sibone kakuhle ukuba uYehova unawe; sathi, makubekho isifungo phakathi kwethu nawe, senze umnqophiso nawe,

26:29b.GEN.026.029 wokuba ungasenzeli bubi, njengokuba singakusunduzanga, njengokuba sikwenzele okulungileyo kodwa, sakundulula unoxolo; ngoku usikelelwe nguYehova.

26:30b.GEN.026.030 Wabenzela isidlo, badla, basela. Bavuka kusasa, bafungelana;

26:31b.GEN.026.031 uIsake wabandulula, bemka kuye benoxolo.

26:32b.GEN.026.032 Kwathi ngaloo mini, bafika abakhonzi bakaIsake, bamxelela indawo yequla ababelimbile, bathi kuye, Siwafumene amanzi.

26:33b.GEN.026.033 Wathi liyiShibha; ngenxa yoko igama laloo mzi liyiBher-shebha unanamhla.

26:34b.GEN.026.034 Ke kaloku uEsawu, akuba minyaka imashumi mane ezelwe, wazeka umfazi, uYuditi intombi kaBheri, umHeti, noBhasemati intombi kaElon, umHeti;

26:35b.GEN.026.035 babacaphukisa ooIsake noRebheka.

27

27:1b.GEN.027.001 Kwathi, akwaluphala uIsake, amehlo akhe enorhatyazo ukuba angaboni, wambiza uEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathi kuye, Nyana wam. Wathi yena kuye, Ndilapha.

27:2b.GEN.027.002 Wathi, Khawubone, ndaluphele, andiyazi imini yokufa kwam.

27:3b.GEN.027.003 Khawuthabathe ngoku iintonga zakho, umphongolo wakho, nesaphetha sakho, uye ezindle, undizingelele inyamakazi;

27:4b.GEN.027.004 undenzele ukudla okunencasa, njengoko ndikuthandayo, ukuzise kum, ndidle; ukuze umphefumlo wam ukusikelele ndingekafi.

27:5b.GEN.027.005 Ke kaloku uRebheka wayesiva ukuba uIsake uthetha kuEsawu unyana wakhe. UEsawu waya kuzingela inyamakazi ezindle, ukuba ayizise.

27:6b.GEN.027.006 URebheka wathetha kuYakobi, unyana wakhe, wathi, Yabona, ndive uyihlo ethetha kuEsawu umkhuluwa wakho, esithi,

27:7b.GEN.027.007 Ndizisele inyamakazi, undenzele ukudla okunencasa, ndidle, ndikusikelele phambi koYehova ndingekafi.

27:8b.GEN.027.008 Ngoko ke, nyana wam, liphulaphule izwi lam ngento endikuwisela umthetho ngayo.

27:9b.GEN.027.009 Khawuhambe uye emhlambini, undithabathele khona amatakane amabini ebhokhwe alungileyo, ndenzele uyihlo ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo;

27:10b.GEN.027.010 ukuse kuyihlo, adle, ukuze akusikelele engekafi.

27:11b.GEN.027.011 Wathi uYakobi kuRebheka unina, Yabona, uEsawu umkhuluwa wam yindoda exhonti, mna ndiyindoda egudileyo.

27:12b.GEN.027.012 Mhlawumbi ubawo wondiva, ndibe njengomgculeli emehlweni akhe, ndizizisele intshwabulelo, ndingaziziseli intsikelelo.

27:13b.GEN.027.013 Wathi unina kuye, Makube phezu kwam ukushwatyulelwa kwakho, nyana wam; phulaphula izwi lam wena, uye undithabathele.

27:14b.GEN.027.014 Waya wawathabatha, wawazisa kunina; unina wenza ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo uyise.

27:15b.GEN.027.015 URebheka wathabatha iingubo zikaEsawu, unyana wakhe omkhulu, ezinqwenelekayo ezibe zikuye endlwini, wamambathisa uYakobi unyana wakhe omnci.

27:16b.GEN.027.016 Izintsu zamatakane lawo ebhokhwe wambathisa ngazo izandla zakhe, nendawo egudileyo yentamo yakhe;

27:17b.GEN.027.017 wabeka esandleni sikaYakobi unyana wakhe ukudla okunencasa, nesonka abesenzile.

27:18b.GEN.027.018 Weza kuyise, wathi, Bawo! Wathi yena, Ndilapha. Ungubani na, nyana wam?

27:19b.GEN.027.019 Wathi uYakobi kuyise, NdinguEsawu, amazibulo akho; ndenze njengoko wathetha ngako kum; khawuvuke ke, uhlale, udle inyamakazi yam, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.

27:20b.GEN.027.020 Wathi uIsake kunyana wakhe, Kutheni na le nto ukhawulezileyo ukuyifumana nyana wam? Wathi yena, uYehova uThixo wakho undithamsanqelisile.

27:21b.GEN.027.021 Wathi uIsake kuYakobi, Khawusondele, ndikuve, nyana wam, ukuba unguye na kanye unyana wam uEsawu, akunguye, kusini na?

27:22b.GEN.027.022 Wasondela uYakobi kuIsake uyise, wamva, wathi, Ilizwi lona lilizwi likaYakobi, kodwa izandla zizandla zikaEsawu.

27:23b.GEN.027.023 Akamnakana ke, kuba izandla zakhe zaba noboya, njengezandla zikaEsawu umkhuluwa wakhe; wamsikelela ke.

27:24b.GEN.027.024 Wathi, Wena lo ungunyana wam uEsawu na? Wathi yena, Ndinguye.

27:25b.GEN.027.025 Wathi, Sondeza kum ndidle inyamakazi yonyana wam, ukuze umphefumlo wam ukusikelele. Wayisondeza kuye, wadla, wamzisela newayini, wasela.

27:26b.GEN.027.026 Wathi uyise uIsake kuye, Khawusondele undange, nyana wam.

27:27b.GEN.027.027 Wasondela, wamanga; waliva ivumba leengubo zakhe, wamsikelela wathi, Yabona, ivumba lonyana wam linjengevumba lelizwe elisikelelwe nguYehova.

27:28b.GEN.027.028 Ngamana uThixo wakunika kuwo umbethe wezulu, Nakuko ukuchuma komhlaba, Nentabalala yengqolowa, newayini entsha;

27:29b.GEN.027.029 Izizwe mazikukhonze, Izizwe ziqubude kuwe. Yiba yinkosi kubazalwana bakho, Baqubude kuwe oonyana bakanyoko; Uqalekisiwe okuqalekisayo, Usikelelwe okusikelelayo.

27:30b.GEN.027.030 Kwathi, akubon’ ukuba ugqibile uIsake ukumsikelela uYakobi ebusweni bukaIsake uyise, wangena uEsawu, umkhuluwa wakhe, evela ekuzingeleni kwakhe.

27:31b.GEN.027.031 Naye wenza ukudla okunencasa, wazisa kuyise, wathi kuyise, Makavuke ubawo adle inyamakazi yonyana wakhe, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.

27:32b.GEN.027.032 Wathi uIsake uyise kuye, Ungubani na? Wathi, Ndingunyana wakho uEsawu, amazibulo akho.

27:33b.GEN.027.033 UIsake wagubha ngokugubha okukhulu kunene, wathi, Ngubani na lo phofu uzingele inyamakazi, wayizisa kum, ndadla entweni yonke, ungekafiki wena, ndamsikelela? Wosikeleleka ke.

27:34b.GEN.027.034 Akuweva uEsawu amazwi kayise, wakhala ngesikhalo esikhulu, esikrakra kunene, wathi kuyise, Ndisikelele nam, bawo.

27:35b.GEN.027.035 Wathi yena, Kufike umninawa wakho ngenkohliso, wayithabatha intsikelelo yakho.

27:36b.GEN.027.036 Wathi, Kungokuba igama lakhe kusithiwa nguYakobi na, le nto andigweqe ezi zihlandlo zozibini? Wathabatha ubuzibulo bam; nanku ngoku, ethabathe nentsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo na mna?

27:37b.GEN.027.037 Waphendula uIsake, wathi kuEsawu, Yabona, ndimmisile waba yinkosi yakho, nabo bonke abazalwana bakhe ndibanike yena, baba ngabakhonzi; ndamxhasa ngengqolowa nangewayini entsha. Yintoni na kaloku endingakwenzela yona, nyana wam?

27:38b.GEN.027.038 Wathi uEsawu kuyise, Inye na le ntsikelelo unayo, bawo? Ndisikelele nam, bawo. Waliphakamisa uEsawu izwi lakhe, walila.

27:39b.GEN.027.039 Waphendula uIsake uyise, wathi kuye, Yabona, ikhaya lakho liya kuba lee nokuchuma komhlaba, Lee nombethe wezulu ovela phezulu.

27:40b.GEN.027.040 Uya kuphila ngekrele lakho, umkhonze umninawa wakho; Kuthi wakudlokova, Uyaphule idyokhwe yakhe, isuke entanyeni yakho.

27:41b.GEN.027.041 UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Iya kusondela imihla yesijwili sikabawo, ndimbulale ke uYakobi umninawa wam.

27:42b.GEN.027.042 Wawaxelelwa uRebheka amazwi kaEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathumela, wambiza uYakobi, unyana wakhe omnci, wathi kuye, Yabona, uEsawu, umkhuluwa wakho, uzithuthuzela ngawe ngokukubulala.

27:43b.GEN.027.043 Ngoko ke, nyana wam, phulaphula izwi lam, usuke ubalekele kuLabhan, umnakwethu, kwaHaran;

27:44b.GEN.027.044 uhlale naye iintsuku ezithile, bude bubuye ubushushu bomkhuluwa wakho,

27:45b.GEN.027.045 ude umsindo womkhuluwa wakho ubuye kuwe, ayilibale into oyenzileyo kuye; ndithumele ke, ndikuphuthume khona. Yini na ukuba ndihluthwe nina nobabini ngamini-nye?

27:46b.GEN.027.046 Ke kaloku uRebheka wathi kuIsake, Ndikruqukile bubomi bam ngenxa yeentombi zakwaHeti. Ukuba uYakobi uthe wazeka umfazi ezintombini zakwaHeti, ezinjengezi ntombi zeli lizwe, boba yintoni na kum obu bomi?

28

28:1b.GEN.028.001 UIsake wambiza uYakobi, wamsikelela, wamwisela umthetho, wathi kuye, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan.

28:2b.GEN.028.002 Suka uye ePadan-aram, endlwini kaBhetuweli unyokokhulu, uzeke khona umfazi ezintombini zikaLabhan, unyokolume.

28:3b.GEN.028.003 Ngamana uThixo uSomandla wakusikelela, wakuqhamisa, wakwandisa, ukuze ube sisikhungu sezizwe;

28:4b.GEN.028.004 akunike intsikelelo ka-Abraham, wena nembewu yakho ndawonye nawe, ukuze ulidle ilifa ilizwe lokuphambukela kwakho, elo uThixo walinika uAbraham.

28:5b.GEN.028.005 UIsake wamndulula ke uYakobi; waya ePadan-aram, kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram, umnakwabo boRebheka, unina booYakobi noEsawu.

28:6b.GEN.028.006 UEsawu wabona ukuba uIsake umsikelele uYakobi, wamndulula ukuba aye ePadan-aram, azeke khona umfazi; ekumsikeleleni kwakhe wamwisela umthetho wokuthi, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan;

28:7b.GEN.028.007 noYakobi umphulaphule uyise nonina, waya ePadan-aram.

28:8b.GEN.028.008 Wabona uEsawu ukuba iintombi zakwaKanan azifunwa nguIsake uyise;

28:9b.GEN.028.009 wasuka waya uEsawu kuIshmayeli, wazeka uMahalati, intombi kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, udade boNebhayoti, phezu kwabafazi bakhe, wangumkakhe.

28:10b.GEN.028.010 Waphuma ke uYakobi eBher-shebha, waya kwaHaran.

28:11b.GEN.028.011 Wathi qatha ndaweni ithile, walala khona, kuba belithshonile ilanga. Wathabatha kumatye aloo ndawo, wabeka phantsi kwentloko yakhe, walala kuloo ndawo.

28:12b.GEN.028.012 Waphupha ebona ileli imisiwe emhlabeni, intloko yayo iye yafika emazulwini; nanzo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo;

28:13b.GEN.028.013 nanko uYehova emi phezu kwayo, wathi, NdinguYehova, uThixo ka-Abraham uyihlo, uThixo kaIsake. Ilizwe elo ulele kulo, ndiya kulinika wena, nembewu yakho;

28:14b.GEN.028.014 imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, uphangalale, usinge entshonalanga, nasempumalanga, nasentla, nasezantsi, zisikelelwe ngawe nangembewu yakho zonke izizwe zehlabathi.

28:15b.GEN.028.015 Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kulo mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, nidide ndikwenze oko ndikuthethileyo kuwe.

28:16b.GEN.028.016 Wavuka uYakobi ebuthongweni bakhe, wathi, Kunjenje ke, uYehova ukho kule ndawo, kanti mna bendingazi.

28:17b.GEN.028.017 Woyika, wathi, Asikuko nokuba iyoyikeka le ndawo; yindlu kaThixo le, ayinto yimbi; lisango lamazulu eli.

28:18b.GEN.028.018 Wavuka uYakobi kwakusasa, walithabatha ilitye abelibeke phantsi kwentloko yakhe, walimisa lasisimiso, wathulula ioli phezu kwalo.

28:19b.GEN.028.019 Wathi igama laloo ndawo yiBheteli, nangona beliyiLuzi, igama laloo mzi ekuqaleni.

28:20b.GEN.028.020 Wabhambathisa ngesibhambathiso uYakobi, esithi, Ukuba uThixo uthe waba nam, wandigcina kuyo le ndlela ndiyihambayo, wandinika isonka ndadla, neengubo ndambatha,

28:21b.GEN.028.021 ndabuyela endlwini kabawo ndinoxolo: uYehova woba nguThixo wam,

28:22b.GEN.028.022 neli litye ndilimisileyo lasisimiso loba yindlu kaThixo; neento zonke othe wandinika, ndokunika isishumi sazo.

29

29:1b.GEN.029.001 Wesuka uYakobi, waya ezweni labasempumalanga.

29:2b.GEN.029.002 Wakhangela, wabona iqula ezweni, nantso ikhona imihlambi emithathu yempahla emfutshane, ibuthile ngakulo; kuba imihlambi yayisezwa kwelo qula. Kukho ilitye elikhulu emlonyeni wequla.

29:3b.GEN.029.003 Yabe ihlanganiselwa khona yonke imihlambi, baliqengqe ilitye, balisuse emlonyeni wequla, bayiseze impahla emfutshane, balibuyisele ilitye elo emlonyeni wequla endaweni yalo.

29:4b.GEN.029.004 UYakobi wathi kubo, Bazalwana bam, nivela phi na? Bathi bona, Sivela kwaHaran.

29:5b.GEN.029.005 Wathi kubo, Niyamazi na uLabhan, unyana kaNahore? Bathi, Siyamazi.

29:6b.GEN.029.006 Wathi kubo, Usaphilile na? Bathi, Usaphilile; nanku noRakeli, intombi yakhe, esiza nempahla emfutshane.

29:7b.GEN.029.007 Wathi, Yabonani, kusesemini enkulu, asilixa lakuhlanganisa impahla; yisezeni impahla emfutshane, niye kwalusa.

29:8b.GEN.029.008 Bathi, Asinako, ide ihlanganiswe yonke imihlambi, liqengqwe ilitye, lisuke emlonyeni wequla, siyiseze ke impahla emfutshane.

29:9b.GEN.029.009 Ke kaloku esathetha nabo, wafika uRakeli nempahla emfutshane kayise; kuba ubeyalusa.

29:10b.GEN.029.010 Kwathi, uYakobi akumbona uRakeli intombi kaLabhan, uninalume, nempahla emfutshane kaLabhan uninalume, wasondela uYakobi, waliqengqa ilitye lesuka emlonyeni wequla, wayiseza impahla emfutshane kaLabhan uninalume.

29:11b.GEN.029.011 UYakobi wamanga uRakeli, waliphakamisa izwi lakhe, wasitsho isililo.

29:12b.GEN.029.012 UYakobi wamxelela uRakeli ukuba ungumzalwana kayise, nokuba ungunyana kaRebheka. Wagidima yena waxelela uyise.

29:13b.GEN.029.013 Kwathi, uLabhan akuluva udaba lukaYakobi, unyana wodade wabo, wagidima waya kumkhawulela, wamwola, wamanga, wamngenisa endlwini yakhe. Yena wambalisela uLabhan ngezo ndawo zonke.

29:14b.GEN.029.014 Wathi uLabhan kuye, Okunene ulithambo lam, uyinyama yam. Wahlala naye inyanga iphela.

29:15b.GEN.029.015 Wathi uLabhan kuYakobi, Kungokuba ungumzalwana wam na, le nto undikhonza negelize? Ndixelele umvuzo wakho.

29:16b.GEN.029.016 Ke kaloku uLabhan waye eneentombi ezimbini; igama lenkulu lalinguLeya, igama lenci lalinguRakeli.

29:17b.GEN.029.017 Ke uLeya wayenechaphothi; uRakeli wayemhle isiqu, emhle imbonakalo.

29:18b.GEN.029.018 UYakobi ubemthanda uRakeli, wathi, Ndokukhonza iminyaka esixhenxe egenxa kaRakeli, intombi yakho enci.

29:19b.GEN.029.019 Wathi uLabhan Kulungile ukuba ndimnike wena, kunokuba ndimnike enye indoda; hlala nam ke.

29:20b.GEN.029.020 UYakobi wakhonza ke iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli; yanga yimihla embalwa emehlweni akhe, ngenxa yokumthanda kwakhe.

29:21b.GEN.029.021 Wathi uYakobi kuLabhan, Ndinike umkam, kuba izalisekile imihla yam, ukuba ndimngene.

29:22b.GEN.029.022 Wawahlanganisa uLabhan onke amadoda aloo ndawo, wenza umsitho.

29:23b.GEN.029.023 Kwathi ngokuhlwa, wathabatha uLeya intombi yakhe, wamngenisa kuye; wamngena ke yena.

29:24b.GEN.029.024 Intombi yakhe uLeya, uLabhan wayinika uZilipa, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.

29:25b.GEN.029.025 Kwathi kusasa, kwabonakala inguLeya. Wathi kuLabhan, Yintoni na le nto uyenzileyo kum? Andikukhonze ngenxa undikhohlise?

29:26b.GEN.029.026 Wathi uLabhan, Akwenjiwa njalo kowethu, ukuthi kwendiswe enci phambi kweyamazibulo.

29:27b.GEN.029.027 Zalisa iveki yale, waleke eminye iminyaka esixhenxe; sokunika naleyo ngenkonzo oya kundikhonza ngayo.

29:28b.GEN.029.028 Wenjenjalo uYakobi, wayizalisa iveki yale. Wamnika ke uRakeli intombi yakhe, yangumkakhe.

29:29b.GEN.029.029 Intombi yakhe uRakeli, uLabhan wayinika uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.

29:30b.GEN.029.030 Wamngena uRakeli, wamthanda uRakeli phezu koLeya. Wakhonza ke, waleka eminye iminyaka esixhenxe.

29:31b.GEN.029.031 UYehova wabona ukuba uLeya uthiyiwe, wasivula isizalo sakhe; ke uRakeli ebengazali.

29:32b.GEN.029.032 Wamitha ke uLeya wazala unyana, wamthiya igama elinguRubhen, ngokuba ebesithi, UYehova uzibonile iintsizi zam; inene, iya kundithanda ngoku indoda yam.

29:33b.GEN.029.033 Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, UYehova uvile ukuba ndithiyiwe, wandinika nalo; wamthiya igama elinguSimon.

29:34b.GEN.029.034 Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Khona ngoku, iya kunamathela kum indoda yam, kuba ndiyizalele oonyana abathathu; ngenxa yoko wamthiya igama elinguLevi.

29:35b.GEN.029.035 Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Okwesi sihlandlo ndiya kumdumisa uYehova; ngenxa yonke wamthiya igama elinguYuda. Wanqamka ukuzala.

30

30:1b.GEN.030.001 Ke kaloku akubona uRakeli ukuba akamzaleli mntwana uYakobi, uRakeli wammonela udade wabo, wathi kuYakobi, Ndinike abantwana; ukuba akundiniki, ndofa.

30:2b.GEN.030.002 Wavutha umsindo kaYakobi ngakuRakeli, wathi, Ndisesikhundleni sikaThixo na, okuvimbileyo isiqhamo sesizalo?

30:3b.GEN.030.003 Wathi yena, Nantso impelesi yam uBhiliha; yingene, izalele emadolweni am, ndakheke nam ngayo.

30:4b.GEN.030.004 Wamnika ke uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumfazi; uYakobi wamngena.

30:5b.GEN.030.005 Wamitha uBhiliha, wamzalela uYakobi unyana.

30:6b.GEN.030.006 Wathi uRhakeli, UThixo undigwebele, kananjalo uliphulaphule izwi lam, wandinika unyana; ngenxa yoko wamthiya igama elinguDan.

30:7b.GEN.030.007 Wabuya wamitha uBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, wamzalela uYakobi unyana wesibini.

30:8b.GEN.030.008 Wathi uRakeli, Ndizamene nodade wethu imizamo kaThixo, kananjalo ndeyisa; wamthiya igama elinguNafetali.

30:9b.GEN.030.009 Ke kaloku wabona uLeya ukuba unqamkile ukuzala, wathabatha uZilipa, umkhonzazana wakhe, wamnika uYakobi ukuba abe ngumfazi.

30:10b.GEN.030.010 UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana.

30:11b.GEN.030.011 Wathi uLeya, Lithamsanqa! Wamthiya igama elinguGadi.

30:12b.GEN.030.012 UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana wesibini.

30:13b.GEN.030.013 Wathi uLeya, Ndiva uyolo, ngokuba iintombi ziya kuthi ndinoyolo. Wamthiya igama elinguAshere.

30:14b.GEN.030.014 Waya uRubhen ngemihla yovuno lwengqolowa, wafumana amathuma endle, wawazisa kuLeya unina. Wathi uRakeli kuLeya, Khawundiphe emathumeni onyana wakho lawo.

30:15b.GEN.030.015 Wathi kuye, Yinto encinane na ukuyithabatha indoda yam, ubuye uthabathe namathuma onyana wam? Wathi uRakeli, Ngako oko mayilale nawe ngobu busuku, ngenxa yamathuma onyana wakho lawo.

30:16b.GEN.030.016 Wafika uYakobi evela ezindle ngokuhlwa, waphuma uLeya esiya kumkhawulela, wathi, Uze undingene, kuba ndikuqeshile ngamathuma onyana wam. Walala ke naye ngobo busuku.

30:17b.GEN.030.017 UThixo wamphulaphula uLeya; wamitha, wamzalela uYakobi unyana wesihlanu.

30:18b.GEN.030.018 Wathi uLeya, UThixo undinikile umvuzo wam, ngenxa yokuba indoda yam ndiyinike umkhonzazana wam.

30:19b.GEN.030.019 Wamthiya igama elinguIsakare. Wabuya wamitha uLeya, wamzalela uYakobi unyana wesithandathu.

30:20b.GEN.030.020 Wathi uLeya, UThixo undiphe isipho esilungileyo; okwesi sihlandlo indoda yam iya kuhlala nam, kuba ndiyizalele oonyana abathandathu. Wamthiya igama elinguZebhulon.

30:21b.GEN.030.021 Emveni koko wazala intombi, wayithiya igama elinguDina.

30:22b.GEN.030.022 Ke kaloku uThixo wamkhumbula uRakeli uThixo wamphulaphula, wasivula isizalo sakhe.

30:23b.GEN.030.023 Wamitha, wazala unyana, wathi, UThixo ukususile ukungcikivwa kwam.

30:24b.GEN.030.024 Wamthiya igama elinguYosefu, wathi, UYehova makongezelele omnye unyana.

30:25b.GEN.030.025 Kwathi, xa uRakeli ebemzele uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndindulule ndiye endaweni yakowethu, ezweni lakowethu.

30:26b.GEN.030.026 Ndinike abafazi bam nabantwana bam, endikukhonze ngenxa yabo, ndihambe; kuba wena uyayazi inkonzo yam endikukhonze ngayo.

30:27b.GEN.030.027 Wathi uLabhan kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, hlala; ndihlabe ukuthi uYehova undisikelele ngenxa yakho.

30:28b.GEN.030.028 Wathi, Ndimisele kakuhle umvuzo wakho ondifaneleyo, ndikunike.

30:29b.GEN.030.029 Wathi kuye, Uyalwazi nawe uhlobo lokukukhonza kwam, nohlobo lokuhlala kwempahla yakho nam.

30:30b.GEN.030.030 Kuba obunayo ndingekafiki yabe imbalwa, ngoku izazekile yaninzi; uYehova ukusikelele apho unyawo lwam luthe lwanyathela; kaloku ndiya kuyisebenzela nini na mna eyam indlu?

30:31b.GEN.030.031 Wathi, Ndikunike ntoni na? Wathi uYakobi, Akuyi kundinika nento le; ukuba uthe wandenzela le ndawo, ndobuya ndiyaluse impahla yakho emfutshane, ndiyigcine.

30:32b.GEN.030.032 Ndiya kucanda phakathi kwayo yonke impahla yakho emfutshane namhlanje, ndihambe ndikhetha kuyo zonke iingusha ezinala, nezirhwexu, neegusha zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, nazo zonke ezirhwexu nezinala phakathi kweebhokhwe, zibe ngumvuzo wam;

30:33b.GEN.030.033 bundingqinele ke ubulungisa bam ngexesha elizayo, xa uthe weza kumvuzo wam ophambi kwakho: zonke ezingenala, nezingerhwexu phakathi kweebhokhwe, nezingemnyama phakathi kweegusha, zoba zezibiweyo ezo, xa zithe zakum.

30:34b.GEN.030.034 Wathi uLabhan, Yabona, makube ngokwelizwi lakho elo.

30:35b.GEN.030.035 Wazikhetha ngaloo mhla iinkunzi zeebhokhwe ezinemizila, nezirhwexu, nazo zonke iimazi zeebhokwe ezinakazi, nezirhwexukazi, zonke ezinobumhlophe, nazo zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, wazinikela esandleni soonyana bakhe.

30:36b.GEN.030.036 Wamisa uhambo lweemini ezintathu phakathi kwabo noYakobi; uYakobi walusa eseleyo ke impahla emfutshane kaLabhan.

30:37b.GEN.030.037 Ke kaloku uYakobi wathabatha iintonga zompopulari omhlophe ezimanzi, nezom-amangile, nezompleyini, wachuba iindawo ezimhlophe kuzo, exwebula buvele ubumhlophe obusezintongeni ezo.

30:38b.GEN.030.038 Wazimisa iintonga abezichubile emijelweni, emikhumbini yamanzi, apho impahla emfutshane ibiza kusela khona, phambi kwempahla emfutshane, ukuba iphathane xa iza kusela.

30:39b.GEN.030.039 Yaphathana ke impahla emfutshane phambi kweentonga ezo, yazala impahla emfutshane enemizila, nerhwexu, nenala.

30:40b.GEN.030.040 Wawahlula uYakobi amatakane lawo, wabukhangelisa ubuso bempahla emfutshane malunga nenemizila, nemnyama, yonke empahleni emfutshane kaLabhan; wayibeka yodwa eyakhe imihlambi, akayibeka empahleni emfutshane kaLabhan.

30:41b.GEN.030.041 Kwathi, xa iphathanayo eyomeleleyo empahleni emfutshane, uYakobi wazibeka iintonga phambi kwempahla emfutshane emijelweni, ukuze iphathane phakathi kweentonga.

30:42b.GEN.030.042 Xa ityhafileyo impahla emfutshane, akazibekanga; yathi ke etyhafileyo yaba yekaLabhan, eyomeleleyo yaba yekaYakobi.

30:43b.GEN.030.043 Yanda indoda leyo kakhulu kunene, Yanda indoda leyo kakhulu kunene, yaba nempahla emfutshane enizi, nabakhonzazana, nabakhonzi, neenkamela, namaesile.

31

31:1b.GEN.031.001 Ke kaloku waweva amazwi oonyana bakaLabhan, besithi, UYakobi uzithabathile zonke izinto abenazo ubawo; ubenze ngezinto zikabawo obu butyebi bakhe bonke.

31:2b.GEN.031.002 Wabubona uYakobi ubuso bukaLabhan, nabo bungenjengezolo nezolo elinye kuye.

31:3b.GEN.031.003 UYehova wathi kuYakobi, Buyela ezweni likayihlo, kwelokuzalwa kwakho; ndoba nawe.

31:4b.GEN.031.004 UYakobi wathumela, wabiza uRakeli noLeya, ukuba beze endle empahleni yakhe emfutshane.

31:5b.GEN.031.005 Wathi kubo, Ndiyabubona ubuso bukayihlo, ukuba abunjengezolo nezolo elinye kum; ke uThixo kabawo ubenam.

31:6b.GEN.031.006 Niyazi nina, ukuba uyihlo ndimkhonze ngamandla am onke;

31:7b.GEN.031.007 ke uyihlo undidephisele, wawuguqula umvuzo wam kalishumi; kodwa uThixo akamvumelanga ukuba andenze into embi.

31:8b.GEN.031.008 Xa athe, Enala yoba ngumvuzo wakho isuke yonke impahla emfutshane yazala enala; xa athe, Enemizila yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enemizila.

31:9b.GEN.031.009 Wayihlutha uThixo imfuyo kayihlo, wandinika.

31:10b.GEN.031.010 Kwathi, ngexesha lokuphathana kwempahla emfutshane, ndawaphakamisa amehlo am, ndabona ephupheni, nanzo iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose.

31:11b.GEN.031.011 Sathi isithunywa sikaThixo kum ephupheni, Yakobi; ndathi, Ndilapha.

31:12b.GEN.031.012 Sathi, Khawuphakamise amehlo akho, ubone; zonke iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose; kuba ndizibonile zonke izinto azenzayo uLabhan kuwe.

31:13b.GEN.031.013 NdinguThixo waseBheteli, apho wasithambisa khona isimiso, apho wabhambathisa ngesibhambathiso kum. Suka ngoko, uphume kweli lizwe, ubuyele ezweni lokuzalwa kwakho.

31:14b.GEN.031.014 Baphendula uRakeli noLeya, bathi kuye, Sisenasabelo nalifa lini na endlwini kabawo?

31:15b.GEN.031.015 Akuthiwa singabasemzini kuye yini na? Kuba uthengise ngathi, wamana eyidla nemali yethu.

31:16b.GEN.031.016 Ngoko kuze bonke ubutyebi abuhluthileyo uThixo kubawo, bube bobethu, noboonyana bethu, kaloku ke konke akuthethileyo uThixo kuwe kwenze.

31:17b.GEN.031.017 Wesuka uYakobi wabakhwelisa oonyana bakhe, nabafazi bakhe, ezinkameleni.

31:18b.GEN.031.018 Waqhuba yonke impahla yakhe, nayo yonke ingqwebo yakhe abeyiqwebile, impahla abeyifuyile, abeyiqwebile ePadan-aram, ukuze aye kuIsake uyise ezweni lakwaKanan.

31:19b.GEN.031.019 ULabhan ubeye kucheba impahla yakhe emfutshane; uRakeli wayiba imilonde-khaya ebiyekayise.

31:20b.GEN.031.020 UYakobi wamlalanisa uLabhan umAram, ekubeni engamxelelanga ukuba uyabaleka.

31:21b.GEN.031.021 Wabaleke ke, yena nako konke abenako; wesuka, wawuwela uMlambo, wabubhekisa ubuso bakhe entabeni yaseGiliyadi.

31:22b.GEN.031.022 Waxelelwa uLabhan ngomhla wesithathu ukuba uYakobi ubalekile.

31:23b.GEN.031.023 Wathabatha abazalwana bakhe, wamphuthuma uhambo lwemihla esixhenxe; bafumanana entabeni yaseGiliyadi.

31:24b.GEN.031.024 Weza uThixo kuLabhan umAram ephupheni ebusuku, wathi kuye, Zilumkele, ungathethi nto kuYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.

31:25b.GEN.031.025 ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi.

31:26b.GEN.031.026 Wathi uLabhan kuYakobi, Wenza ntoni na ukundilalanisa, uziqhube iintombi zam njengabathinjwe ngekrele?

31:27b.GEN.031.027 Yini na ukuba uzimele, ubaleke, undilalanise, ungandixeleli? Ngendiba ndokundulule ngemivuyo, nangeengoma, nangengqongqo, nangohadi.

31:28b.GEN.031.028 Yini na ukuba ungandivumeli ndibange oonyana bam neentombi zam? Kaloku wenze ngobudenge.

31:29b.GEN.031.029 Kusemandleni esandla sam ukunenza ububi; ke uThixo kayihlo uthethe nam phezolo, esithi, Zilumkele, ungathethi nto noYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.

31:30b.GEN.031.030 Ngoku umkileyo nje, ngokuba walangazelela kakhulu indlu kayihlo, uzibeleni na zona izithixo zam?

31:31b.GEN.031.031 Waphendula uYakobi wathi kuLabhan, Bendisoyika, kuba bendisithi, Hleze uzixhakamfule kum iintombi zakho.

31:32b.GEN.031.032 Osukuba uzifumana kuye izithixo zakho, makangadli bomi. Phambi kwabazalwana bethu fanisa into yakho enam, uyithabathe. Wayengazi uYakobi ukuba uRakeli uzibile.

31:33b.GEN.031.033 Wangena uLabhan ententeni kaYakobi, nasententeni kaLeya, nasententeni yeempelesi zombini; akazifumana. Waphuma ententeni kaLeya, wangena ententeni kaRakeli.

31:34b.GEN.031.034 Ke kaloku uRakeli ebeyithabathile imilonde-khaya, wayifaka phakathi kwesali yenkamela, wahlala phezu kwayo. ULabhan wayiphuthaphutha yonke intente, akayifumana.

31:35b.GEN.031.035 Wathi kuyise, Mawungabi namsindo, nkosi yam, kuba ndingenako ukusuka phambi kwakho, ngokuba ndihleli phezu kwengca. Wagquthagqutha, akayifumana imilonde-khaya.

31:36b.GEN.031.036 Wavutha umsindo kaYakobi, wabambana noLabhan. Waphendula uYakobi, wathi kuLabhan, Luyintoni na ukreqo lwam, siyintoni na isono sam, ukuba undisukele ngokushushu nje?

31:37b.GEN.031.037 Uziphuthaphuthile zonke iimpahla zam; ufumene ntoni na yazo zonke iimpahla zendlu yakho? Yibeke apha phambi kwabazalwana bam, nabazalwana bakho, bahlule phakathi kwethu sobabini.

31:38b.GEN.031.038 Le minyaka imashumi mabini bendinawe; iimazi zakho zeegusha, neemazi zebhokhwe aziphunzanga, neenkunzi zempahla yakho emfutshane andizidlanga.

31:39b.GEN.031.039 Into eqwengiweyo andiyizisanga kuwe, ndayimisela ngokwam; wayibiza esandleni sam nokuba ibiwe emini, nokuba ibiwe ebusuku.

31:40b.GEN.031.040 Emini ndadliwa bubushushu, ebusuku yingqele; ubuthongo bam bemka emehlweni am.

31:41b.GEN.031.041 Kwaba njalo kum le minyaka imashumi mabini endlwini yakho; ndakukhonza iminyaka elishumi elinamine ngenxa yeentombi zakho zombini, iminyaka emithandathu ngenxa yempahla yakho emfuthsane; uwuguqule kalishumi umvuzo wam.

31:42b.GEN.031.042 Koko uThixo kabawo, uThixo ka-Abraham, Ohlonelwa nguIsake, waba nam, inene unge undindulule ndilambatha ngoku. UThixo uzibonile iintsizi zam nokuxelenga kwezandla zam, wakohlwaya phezolo.

31:43b.GEN.031.043 ULabhan waphendula wathi kuYakobi, Iintombi ziintombi zam, oonyana ngoonyana bam, impahla emfutshane yimpahla yam, neento zonke ozibonayo zezam. Ndinakwenza ntoni na namhla ezintombini zam ezi, nakoonyana azo ezibazeleyo?

31:44b.GEN.031.044 Yiza ngoku, senze umnqophiso, mna nawe, ube lingqina phakathi kwam nawe.

31:45b.GEN.031.045 UYakobi wathabatha ilitye, waliphakamisa lasisimiso.

31:46b.GEN.031.046 Wathi uYakobi kubazalwana bakhe, Cholani amatye. Bathabatha amatye, benza imfumba, badla khona phezu kwaloo mfumba.

31:47b.GEN.031.047 Wathi ukuyibiza uLabhan yiYegarsahaduta, uYakobi wathi ukuyibiza yiGaledi.

31:48b.GEN.031.048 Wathi uLabhan, Le mfumba ilingqina phakathi kwam nawe namhla, ngenxa yoko yathiywa igama eliyiGaledi;

31:49b.GEN.031.049 neliyiMizpa, ngokuba wathi Makobonisele uYehova phakathi kwam nawe, sakuba sisithelene;

31:50b.GEN.031.050 ukuba uthe wazicinezela iintombi zam, nokuba uthe wazeka abafazi phezu kweentombi zam, akukho bani unathi. Khangela, uThixo ulingqina phakathi kwam nawe.

31:51b.GEN.031.051 ULabhan wathi kuYakobi, Yabona le mfumba, yabona esi simiso ndisiphakamisileyo phakathi kwam nawe;

31:52b.GEN.031.052 ingqina yile mfumba, ingqina sesi simiso, ukuba andiyi kugqitha mna kule mfumba ndiye kuwe, ukuba akuyi kugqitha wena kule mfumba nakwesi simiso uze kum, senzane ububi.

31:53b.GEN.031.053 UThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, uThixo woyise wabo, makagwebe phakathi kwethu. UYakobi wafunga Ohlomelwa nguyise uIsake.

31:54b.GEN.031.054 UYakobi wabingelela umbingelelo entabeni apho, wabiza abazalwana bakhe, ukuba badle isonka. Badla ke isonka, balala entabeni apho.

31:55b.GEN.031.055 Wavuka uLabhan kusasa, wabanga oonyana bakhe, neentombi zakhe, wabasikelela; wemka ke uLabhan, wabuyela ekhayeni lakhe.

32

32:1b.GEN.032.001 UYakobi wahamba ngendlela yakhe; zaqubisana naye izithunywa zikaThixo.

32:2b.GEN.032.002 Wathi uYakobi akuzibona, Ngumkhosi kaThixo lo; wathi igama laloo ndawo yiMahanayim.

32:3b.GEN.032.003 Ke kaloku uYakobi wathuma abathunywa phambi kwakhe, baya kuEsawu, umkhuluwa wakhe, ezweni lakwaSehire, emhlabeni wakwaEdom.

32:4b.GEN.032.004 Wabawisela umthetho esithi, Nothi ukuthetha enkosini yam uEsawu, Utsho umkhonzi wakho uYakobi ukuthi, Bendingumphambukeli kuLabhan, ndalibala khona kwada kwangoku;

32:5b.GEN.032.005 ndineenkomo namaesile, nempahla emfutshane, nabakhonzi, nabakhonzazana; ndithumele ukuxelela inkosi yam, ukuze indibabale.

32:6b.GEN.032.006 Abathunywa babuyela kuYakobi besithi, Sifikile kumkhuluwa wakho uEsawu, naye uyeza kukukhawulela, enamadoda angamakhulu omane.

32:7b.GEN.032.007 Woyika kunene uYakobi, wabandezeleka, wabahlula abantu ababenaye, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela; iimfuduka zambini.

32:8b.GEN.032.008 Wathi, Ukuba uEsawu uthe wafika kwenye imfuduka, wayichitha, yosinda imfuduka eseleyo.

32:9b.GEN.032.009 Wathi uYakobi, Thixo kabawo uAbraham, Thixo kabawo uIsake, Yehova, uthe kum, Buyela ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho; ndokuphatha kakuhle.

32:10b.GEN.032.010 Andiyilingene inceba yonke, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela le Yordan, ndinentonga yam yodwa, kodwa ngoku ndimfuduka mbini.

32:11b.GEN.032.011 Khawundihlangule esandleni somkhuluwa wam, esandleni sikaEsawu; ngokuba ndiyamoyika, hleze afike andibulale, unina ndawonye nabantwana.

32:12b.GEN.032.012 Wawuthe wena, Inene, ndiya kukuphatha kakuhle, imbewu yakho nidyenze ibe njengentlabathi yolwandle, engenakubalwa ngenxa yobuninzi.

32:13b.GEN.032.013 Ke kaloku yena walala khona ngobo busuku. Wathabatha entweni esifike kuyo isandla sakhe, yangumnikelo kuEsawu, umkhuluwa wakhe;

32:14b.GEN.032.014 iimazi zeebhokhwe ezimakhulu mabini, neenkunzi zeebhokhwe ezimashumi mabini, neemazi neegusha ezimakhulu mabini, neenkunzi zeegusha ezimashumi mabini,

32:15b.GEN.032.015 neenkamela ezisengwayo ezimashumi mathathu, ezinamathole azo, neemazi zeenkomo ezimashumi mane, neenkunzi zeenkomo ezilishumi, neemazi zamaesile ezimashumi mabini, namaxhamxwa alishumi.

32:16b.GEN.032.016 Wazinikela esandleni sabakhonzi bakhe, walowo umhlambi wawodwa. Wathi kubakhonzi bakhe, Welani phambi kwam, nibeke isithuba phakathi komhlambi nomhlambi.

32:17b.GEN.032.017 Owokuqala wamwisela umthetho, wathi, Xa athe uEsawu umkhuluwa wam waqubisana nawe, wakubuza ngokuthi, Ungokabani na? Uya phi na? Zezikabani na ezi zinto ziphambi kwakho?

32:18b.GEN.032.018 wothi, Zezomkhonzi wakho uYakobi: ngumnikelo othunyelwe inkosi yam uEsawu; nanku ke naye ngasemva kwethu.

32:19b.GEN.032.019 Nowesibini, nowesithathu wamwisela umthetho, nabo bonke ababeyilandela imihlambi, esithi, Nothetha ngolo hlobo kuEsawu, nakufumanana naye.

32:20b.GEN.032.020 Kananjalo nothi, Nanko mkhonzi wakho uYakobi engasemva kwethu. Kuba wathi, Mandibucamagushe ubuso bakhe ngomnikelo ohamba phambi kwam, emveni koko ndibubone ubuso bakhe; mhlawumbi wondibuka.

32:21b.GEN.032.021 Umnikelo lowo wahamba phambi kwakhe; ke yena walala ngobo busuku emfudukeni.

32:22b.GEN.032.022 Wavuka ngobo busuku, wathabatha abafazi bakhe bobabini, nabakhonzanzana bakhe bobabini noonyana bakhe abalishumi elinamnye, waliwela izibuko le Yabhoki.

32:23b.GEN.032.023 Wabathabatha ke, wabaweza emfuleni lowo, waziweza zonke izinto abenazo.

32:24b.GEN.032.024 UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa.

32:25b.GEN.032.025 Yakubona ukuba ayimeyisi, yachukumisa usikrobana womlenze wakhe, wancothuka usikrobana womlenze kaYakobi ngokuzamana nayo.

32:26b.GEN.032.026 Yathi, Ndindulule ndihambe, kuba kuyasa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.

32:27b.GEN.032.027 Yathi kuye, Ngubani na igama lakho? Wathi, NdinguYakobi.

32:28b.GEN.032.028 Yathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli, ngokuba ulwe noThixo nabantu, weyisa.

32:29b.GEN.032.029 Wabuza uYakobi wathi, Ndixelele igama lakho. Yathi, Ulibuzelani na igama lam? Yamsikelela khona.

32:30b.GEN.032.030 UYakobi wayithiya loo ndawo igama eliyiPeniyeli; kuba wathi, Ndibonene noThixo, wahlangulwa umphefumlo wam.

32:31b.GEN.032.031 Lathi chapha ilanga, akudlula ePeniweli, ejingxela ngomlenze wakhe.

32:32b.GEN.032.032 Ngenxa yoko oonyana bakaSirayeli abawudli umsipha kasikrobana ophezu kosikrobana womlenze, nanamhla; ngokuba yachukumisa usikrobana womlenze kaYakobi emsipheni kasikrobana.

33

33:1b.GEN.033.001 Wawaphakamisa uYakobi amehlo akhe, wabona, nanko uEsawu esiza, enamadoda amakhulu mane. Abantwana wabahlulahlula, baba kuLeya, nakuRakeli, nakubakhonzazana bobabini.

33:2b.GEN.033.002 Wababeka abakhonzazana nabantwana babo phambili, uLeya nabantwana bakhe emva kwabo, uRakeli noYosefu emva kanye.

33:3b.GEN.033.003 Ke yena wagqithela phambi kwabo, waqubuda emhlabeni kasixhenxe, wada wasondela kumkhuluwa wakhe.

33:4b.GEN.033.004 Wagidima uEsawu emkhawulela, wamwola, wawa entanyeni yakhe, wamanga; basitsho isililo.

33:5b.GEN.033.005 Wawaphakamisa amehlo akhe, wababona abafazi nabantwana, wathi, Ngoobani na aba banawe? Wathi yena, Ngabantwana, athe uThixo wabababala umkhonzi wakho.

33:6b.GEN.033.006 Basondela abakhonzazana, bona nabantwana babo, baqubuda.

33:7b.GEN.033.007 Wasondela noLeya nabantwana bakhe, baqubuda; emveni koko wasondela uYosefu noRakeli, baqubuda.

33:8b.GEN.033.008 Wathi, Iyintoni na yonke le mfuduka yakho endiqubisene nayo? Wathi, Yeyokuba ndibabalwe emehlweni enkosi yam.

33:9b.GEN.033.009 Wathi uEsawu, Ndanele, mninawa; makube kokwakho okwakho.

33:10b.GEN.033.010 Wathi uYakobi, Hayi, makungabi njalo. Ukuba kaloku ndibabalwe emehlweni akho, thabatha umnikelo wam lo esandleni sam; kuba ngenxa yoko ndibubonile ubuso bakho, ndanga ndibona ubuso bukaThixo, ndalikholo kuwe.

33:11b.GEN.033.011 Khawuyithabathe intsikelelo yam ezisiweyo kuwe, ngokuba uThixo undibabale, kuba ndineento zonke. Wamjoka, wayithabatha.

33:12b.GEN.033.012 Wathi uEsawu, Masinduluke, sihambe; ndohamba phambi kwakho.

33:13b.GEN.033.013 Wathi kuye, Inkosi yam iyazi ukuba abantwana bathambile, nempahla emfutshane, neenkomo ezanyisayo ziphezu kwam; yothi iqhutywe kakhulu imini enye, ife yonke impahla emfutshane.

33:14b.GEN.033.014 Inkosi yam mayikhe igqithele phambi komkhonzi wayo ndihambise kuhle ngokuhamba kwempahla ephambi kwam, nangokuhamba kwabantwana, ndide ndifike enkosini yam kwaSehire.

33:15b.GEN.033.015 Wathi uEsawu, Makhe ndiyishiye kuwe inxenye yabantu abanam. Wathi yena, Ngani na? Mandibabalwe emehlweni enkosi yam.

33:16b.GEN.033.016 Wabuya ngaloo mhla uEsawu ngendlela yakhe, esiya kwaSehire.

33:17b.GEN.033.017 UYakobi wanduluka, waya eSukoti, wazakhela indlu, iinkomo zakhe wazibiyela iintlantsi; ngenxa yoko kwathiwa igama laloo ndawo yiSukoti.

33:18b.GEN.033.018 Wafika uYakobi enoxolo emzini kaShekem, osezweni lakwaKanan, ekuveleni kwakhe ePadan-aram; wamisa iintente phambi komzi.

33:19b.GEN.033.019 Wathenga isiziba somhlaba, apho wayitwabulula khona intente yakhe, esandleni soonyana bakaHamore usoShekem, ngekhulu lemali.

33:20b.GEN.033.020 Wamisa khona isibingelelo, wathi ukusithiya nguThixo, uThixo kaSirayeli.

34

34:1b.GEN.034.001 Ke kaloku uDina, intombi kaLeya, leyo wayizalela uYakobi, waphuma waya kubona iintombi zelo zwe.

34:2b.GEN.034.002 UShekem, unyana kaHamore umHivi, isikhulu selizwe, sambona, samthabatha, salala naye, samona.

34:3b.GEN.034.003 Umphefumlo wakhe wanamathela kuDina intombi kaYakobi; wayithanda intombi leyo, wathetha kakuhle nentombi.

34:4b.GEN.034.004 UShekem wathetha kuHamore uyise wathi, Ndizekele le ntombi ibe ngumfazi.

34:5b.GEN.034.005 Weva uYakobi ukuba umenze inqambi uDina, intombi yakhe. Ke oonyana bakhe baye besempahleni yakhe endle; wathi tu ke uYakobi, bada bafika.

34:6b.GEN.034.006 Waphuma uHamore, uyise kaShekem, eza kuthetha noYakobi.

34:7b.GEN.034.007 Bafika oonyana akaYakobi evela kwalusa. Bakuyiva le nto aba bahlungu amadoda lawo, avutha kunene ngumsindo, ngokuba wenza ubudenge kwaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, into leyo engeyakwenziwa.

34:8b.GEN.034.008 Wathetha uHamore nabo, esithi, uShekem, unyana wam, umphefumlo wakhe uthene nca nentombi yakowenu; khanimnike ibe ngumkakhe;

34:9b.GEN.034.009 nendiselane nathi, nisinike iintombi zenu, nizeke iintombi zethu;

34:10b.GEN.034.010 nahlale nathi, ilizwe libe phambi kwenu; hlalani nirhwebe kulo, niqiniseke ukuma kulo.

34:11b.GEN.034.011 Wathi uShekem kuyise wayo, nakubanakwayo, Mandibabalwe emehlweni enu, nento eniyithethayo kum ndoninika.

34:12b.GEN.034.012 Yandisani kunene ikhazi phezu kwam, nesipho; ndoninika njengoko nithethayo kum; ndinikeni ke intombi leyo ibe ngumfazi.

34:13b.GEN.034.013 Oonyana bakaYakobi babaphendla ooShekem noHamore uyise ngenkohliso, bathetha nabo, ngokuba ebemenze inqambi uDina, udade wabo.

34:14b.GEN.034.014 Bathi kubo, Asinakuyenza le nto, yokuba udade wethu simnike indoda engalukanga; kuba loo nto ibe ingaba sisingcikivo kuthi.

34:15b.GEN.034.015 Sovumelana nani ngale ndawo yodwa, ukuba nithe naba njengathi, ngokuthi yaluke kuni yonke into eyindoda.

34:16b.GEN.034.016 Soninika ke iintombi zethu, sizeke iintombi zenu, sihlale nani, sibe bantu banye.

34:17b.GEN.034.017 Ukuba nithe anasiphulaphula ngokuthi naluke, soyithabatha intombi yethu, simke.

34:18b.GEN.034.018 Alunga amazwi abo emehlweni kaHamore, nasemehlweni kaShekem, unyana kaHamore.

34:19b.GEN.034.019 Akalibala umfana ukuyenza loo nto, uba ubethabathekile yintombi kaYakobi; ubezukile yena ngaphezu kwayo yonke indlu kayise.

34:20b.GEN.034.020 Weza uHamore noShekem, unyana wakhe, esangweni lomzi wabo, bathetha kumadoda omzi, bathi,

34:21b.GEN.034.021 La madoda ayavana nathi; makahlale ezweni apha, arhwebe kulo; ilizwe eli, yabonani, libanzi ngeenxa zombini phambi kwawo; sozizeka iintombi zawo zibe ngabafazi, siwanike iintombi zethu.

34:22b.GEN.034.022 Ke ovumelana nathi ngale ndawo yodwa amadoda lawo, ukuhlala nathi, sibe bantu banye, yakwaluka kuthi yonke into eyinoda, njengokuba alukile wona.

34:23b.GEN.034.023 Imfuyo yawo, nengqwebo yawo, nawo onke amaqegu awo, akasayi kuba ngawethu na? Siya kuthi kodwa sivumelane nawo, ukuba ahlale nathi.

34:24b.GEN.034.024 Bamphulaphula ke uHamore noShekem unyana wakhe, bonke abaphuma ngesango omzi wabo. Yaluswa yonke into eyindoda, bonke abaphuma ngesango lomzi wabo.

34:25b.GEN.034.025 Kwathi ngomhla wesithathu, bakuba buhlungu, besuka oonyana ababini bakaYakobi, uSimon noLevi, abanakwabo boDina, bathabatha walowo ikrele lakhe, bawufikela loo mzi ungakhumbulele nto, babulala yonke into eyindoda.

34:26b.GEN.034.026 Babulala noHamore, noShekem unyana wakhe, ngohlangothi lwekrele, bamthabatha uDina endlwini kaShekem, baphuma.

34:27b.GEN.034.027 Oonyana bakaYakobi babafikela ababuleweyo, bawuphanga umzi, ngokuba bebemenze inqambi udade wabo.

34:28b.GEN.034.028 Impahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, namaesile abo, neento zonke ezibe ziphakathi komzi, nezibe zisendle, bazithabatha;

34:29b.GEN.034.029 nobutyebi babo bonke, nabantwana babo bonke, nabafazi babo, babathimba, baphanga neento zonke ebe zisendlwini.

34:30b.GEN.034.030 UYakobi wathi kuSimon nakuLevi, Nindihlisele ishwangusha, ukuze ndinuke phakathi kwabemi belizwe eli, phakathi kwamaKanan, naphakathi kwamaPerizi; ndibantu bambalwa nje mna, baya kundihlanganyela, bandibulale, nditshatyalaliswe mna, nendlu yam.

34:31b.GEN.034.031 Bathi bona, udade wethu angaphathwa njengehenyukazi yini na?

35

35:1b.GEN.035.001 Ke kaloku wathi uThixo kuYakobi, Suka uye eBheteli, uhlale khona, wenze khona isibingelelo kuThixo, owabonakalayo kuwe ekubalekeni kwakho ebusweni bukaEsawu, umkhuluwa wakho.

35:2b.GEN.035.002 Wathi ke uYakobi kwindlu yakhe, nakubo bonke ababenaye, Susani izithixo zasemzini eziphakathi kwenu, nina nizihlambulule, ninxibe ngubo zimbi;

35:3b.GEN.035.003 sisuke, sinyuke siye eBheteli, senze khona isibingelelo kuThixo, owandiphendula ngomhla wokubandezeleka kwam, obe nam endleleni endandihamba ngayo.

35:4b.GEN.035.004 Bazinika uYakobi zonke izithixo zasemzini ebezisesandleni sabo, namajikazi abesezindlebeni zabo; uYakobi wazimbela phantsi komoki obungakwaShekem.

35:5b.GEN.035.005 Banduluka; uqhiphulo-mbilini ngoThixo lwaba phezu kwemizi ngeenxa zonke kubo, ayabasukela oonyana bakaYakobi.

35:6b.GEN.035.006 Wafika uYakobi eLuzi, esezweni lakwaKanan, ekwayiBheteli; yena nabo bonke abantu ababenaye.

35:7b.GEN.035.007 Wakha khona isibingelelo, wathi loo ndawo ukuyibiza nguThixo waseBheteli; kuba kulapho uThixo wazityhilayo kuye, ekubalekeni kwakhe ebusweni bomkhuluwa wakhe.

35:8b.GEN.035.008 Wafa uDebhora, umanyisikazi kaRebheka, angcwatywa ngasezantsi kweBheteli, phantsi kom-oki; kwathiwa igama layo nguMoki wokuLila.

35:9b.GEN.035.009 UThixo wabuya wabonakala kuYakobi ekuveleni kwakhe ePadan-aram, wamsikelela.

35:10b.GEN.035.010 Wathi uThixo kuye, Igama lakho nguYakobi; akuyi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kuya kuthiwa igama lakho nguSirayeli; wamthiya ke igama elinguSirayeli.

35:11b.GEN.035.011 Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. Qhama, wande; uhlanga nesikhungu seentlanga siya kuvela kuwe, nookumkani baphume esinqeni sakho.

35:12b.GEN.035.012 Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndilinike wena; ndilinike imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo.

35:13b.GEN.035.013 Wenyuka uThixo, wemka kuye kuloo ndawo abethethe naye kuyo.

35:14b.GEN.035.014 UYakobi wamisa isimiso kuloo ndawo abethethe naye kuyo, isimiso samatye; wathulula phezu kwaso umnikelo othululwayo, wagalela neoli phezu kwaso.

35:15b.GEN.035.015 UYakobi wathi igama laloo ndawo, uThixo abethethe naye kuyo, yiBheteli.

35:16b.GEN.035.016 Banduluka eBheteli. Kwathi, kusemganyana ukuba kufikwe e-Efrata, wazala uRakeli, kwaba nzima ukuzala kwakhe.

35:17b.GEN.035.017 Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika, kuba nalo ngunyana wakho.

35:18b.GEN.035.018 Kwathi ekupumeni komphefumlo wakhe, kuba wafayo, wathi nguBhenoni igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin.

35:19b.GEN.035.019 Wafa ke uRakeli, wangcwatyelwa endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.

35:20b.GEN.035.020 UYakobi wamisa isimiso phezu kwengcwaba lakhe; sisimiso sengcwaba likaRakeli nanamhla.

35:21b.GEN.035.021 USirayeli wayincothula intente yakhe, waya wayitwabulula ngaphaya kweMigdoli-edere.

35:22b.GEN.035.022 Kwathi, ekuhlaleni kukaSirayeli kwelo zwe, waya uRubhen, wamlala uBhiliha, ishweshwe likayise; weva ke uSirayeli. Oonyana bakaYakobi babelishumi elinababini.

35:23b.GEN.035.023 Oonyana bakaLeya nguRubhen, owamazibulo kuYakobi, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon.

35:24b.GEN.035.024 Oonyana bakaRakeli nguYosefu noBhenjamin.

35:25b.GEN.035.025 Oonyana bakaBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, nguDan noNafetali.

35:26b.GEN.035.026 Oonyana bakaZilipa, umkhonzazana kaLeya, nguGadi noAshere. Ngabo abo oonyana bakaYakobi, awabazalelwa ePadan-aram.

35:27b.GEN.035.027 UYakobi waya kuIsake uyise kwaMamre, eKiriyati ka-Arbha, eHebron, apho babengabaphambukeli khona uAbraham noIsake.

35:28b.GEN.035.028 Imihla kaIsake yaba yiminyaka elikhulu elinamanci asibhozo.

35:29b.GEN.035.029 UIsake waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo, aluphele, ephelele ebudaleni. Bamngcwaba ooEsawu noYakobi, oonyana bakhe.

36

36:1b.GEN.036.001 Yiyo le ke inzala kaEsawu, onguEdom.

36:2b.GEN.036.002 UEsawu wabazeka abafazi bakhe ezintombini zakwaKanan: uAda, intombi kaElon umHeti, oAholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon umHivi;

36:3b.GEN.036.003 wazeka noBhasemati, intombi kaIshmayeli, udade boNebhayoti.

36:4b.GEN.036.004 UAda wamzalela uEsawu uElifazi: uBhasemati wazala uRehuweli.

36:5b.GEN.036.005 UAholibhama wazala uYehushe, noYalam, noKora. Ngabo abo oonyana bakaEsawu, awabazalelwayo ezweni lakwaKanan.

36:6b.GEN.036.006 UEsawu wabathabatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, neentombi zakhe, nabendlu yakhe yonke, nemfuyo yakhe, namaqegu akhe onke, nengqwebo yakhe yonke abeyiqebile ezweni lakwaKanan, waya kwelinye ilizwe, emka ngenxa kaYakobi umninawa wakhe.

36:7b.GEN.036.007 Kuba ingqwebo yabo ibininzi, ukuze bangabi nakuhlala ndawonye; nelizwe lokuphambukela kwabo libe lingenakubathwala, ngenxa yemfuyo yabo.

36:8b.GEN.036.008 Wahlala uEsawu entabeni yakwaSehire. UEsawu ke lowo nguEdom.

36:9b.GEN.036.009 Yiyo le ke inzala kaEsawu, uyise wamaEdom, entabeni yakwaSehire.

36:10b.GEN.036.010 Ngawo la ke amagama oonyana bakaEsawu: nguElifazi, unyana ka-Ada, umkaEsawu; nguRehuweli, unyana kaBhasemati, umkaEsawu.

36:11b.GEN.036.011 Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefo, noGatam, noKenazi.

36:12b.GEN.036.012 UTimna ebelishweshwe likaElifazi, unyana kaEsawu, wamzalela uElifazi uAmaleki;

36:13b.GEN.036.013 ngabo abo oonyana baka-Ada, umkaEsawu. Ngabo aba oonyana bakaRehuweli: uNahati, noZera, noShama, noMiza. Ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu.

36:14b.GEN.036.014 Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon, umkaEsawu: wamzalela uEsawu uYehushe, noYalam, noKora.

36:15b.GEN.036.015 Zizo ezi izikhulu zoonyana bakaEsawu: oonyana bakaElifazi, owamazibulo kuEsawu, sisikhulu esinguTeman, isikhulu esingeOmare, isikhulu esinguTsefo, isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguKora, isikhulu esinguGatam, isikhulu esinguAmaleki.

36:16b.GEN.036.016 Zizo ezo izikhulu zakwaElifazi ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana baka-Ada.

36:17b.GEN.036.017 Ngabo aba oonyana bakaRehuweli, unyana kaEsawu: sisikhulu esinguNahati, isikhulu esinguZera, isikhulu esinguShama, isikhulu esinguMiza; zizo ezo izikhulu zakwaRehuweli ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu.

36:18b.GEN.036.018 Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, umkaEsawu: sisikhulu esinguYehushe, isikhulu esinguYalam, isikhulu esinguKora; zizo ezo izikhulu zakwa-Aholibhama, intombi ka-Ana, umkaEsawu.

36:19b.GEN.036.019 Ngabo abo oonyana bakaEsawu, zizo ezo izikhulu; nguEdom ke lowo.

36:20b.GEN.036.020 Ngabo abo oonyana bakaSehire umHori, ababemi kwelo zwe: uLotan, noShobhali,

36:21b.GEN.036.021 noTsibheyon, oAna, noDishon noEtsere, noDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, oonyana bakaSehire, ezweni lakwaEdom.

36:22b.GEN.036.022 Oonyana bakaLotan babengamaHori, noHemam; udade boLotan nguTimna.

36:23b.GEN.036.023 Ngabo aba oonyana bakaShobhali: nguAlevan, noManahati, noEbhali, noShefo, no-Onam.

36:24b.GEN.036.024 Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise.

36:25b.GEN.036.025 Ngabo aba oonyana baka-Ana: NguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana: nguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana.

36:26b.GEN.036.026 Ngabo aba oonyana bakaDishon: nguHemdan, noEshbhan, noItran, noKeran.

36:27b.GEN.036.027 Ngabo aba oonyana bakaEtsere:

36:28b.GEN.036.028 nguBhilehan, noZavan, noAkan. Ngabo aba oonyana bakaDishan: ngu-Utse noAran.

36:29b.GEN.036.029 Zizo ezi izikhulu zamaHori: isikhulu esinguLotan, isikhulu esinguShobhali, isikhulu esinguTsibheyon, isikhulu esinguAna, isikhulu esinguDishon,

36:30b.GEN.036.030 isikhulu esinguEtsere, isikhulu esinguDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, ngokwezikhulu zabo ezweni lakwaSehire.

36:31b.GEN.036.031 Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani unobukumkani kubo oonyana bakaSirayeli:

36:32b.GEN.036.032 uBhela, unyana kaBhehore, walawula kwaEdom; igama lomzi wakhe yiDinabha.

36:33b.GEN.036.033 Wafa uBhela, wathi uYobhabhi, unyana kaZera waseBhotsera, walawula esikhundleni sakhe.

36:34b.GEN.036.034 Wafa uYobhabhi, wathi uHusham, wasezweni lamaTeman, walawula esikhundleni sakhe.

36:35b.GEN.036.035 Wafa uHusham, wathi uHadadi, unyana kaBhedadi, owawatshabalalisayo amaMidiyan emhlabeni wamaMowabhi, walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiAviti.

36:36b.GEN.036.036 Wafa uHadadi, wathi uSamla waseMasereka walawula esikhundleni sakhe.

36:37b.GEN.036.037 Wafa uSamla, wathi uSawule, waseRehobhoti yoMlambo, walawula esikhundleni sakhe.

36:38b.GEN.036.038 Wafa uSawule, wathi uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, walawula esikhundleni sakhe.

36:39b.GEN.036.039 Wafa uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, wathi uHadare walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiPawu; igama lomkakhe nguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.

36:40b.GEN.036.040 Ngawo la amagama ezikhulu zakwaEsawu ngokwezizwe zazo, ngokweendawo zazo, ngamagama azo: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAleva, isikhulu esinguYetete,

36:41b.GEN.036.041 isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla, isikhulu esinguPinon,

36:42b.GEN.036.042 isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguTeman, isikhulu esinguMibhetsare,

36:43b.GEN.036.043 isikhulu esinguMagediyeli, isikhulu esinguIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom, ngokwamakhaya azo, ezweni lokuma kwazo. NguEsawu ke lowo uyise wamaEdom.

37

37:1b.GEN.037.001 Ke kaloku uYakobi wahlala ezweni lokuphambukela kukayise, ezweni lakwaKanan.

37:2b.GEN.037.002 Yiyo le ke inzala kaYakobi. UYosefu, engominyaka ilishumi linesixhenxe ezelwe, wayesalusa impahla emfutshane ndawonye nabakhuluwa bakhe; yena ke, engumfana, wayenoonyana bakaBhiliha, noonyana bakaZilipa, abafazi bakayise. UYosefu wazisa udaba lwabo olubi kuyise.

37:3b.GEN.037.003 USirayeli wayemthanda uYosefu ngaphezu kwabo bonke oonyana bakhe, ngokuba ebengunyana wokwaluphala kwakhe; yena wamenzela ke ingubo ende enemikhono.

37:4b.GEN.037.004 Abakhuluwa bakhe babona ukuba uyise umthanda ngaphezu kwabo bonke, bamthiya, ababa nakuthetha naye bexolile.

37:5b.GEN.037.005 UYosefu waphupha iphupha, wabaxelela abakhuluwa bakhe; kwaba kukhona bamthiyayo.

37:6b.GEN.037.006 Wathi kubo, Khanilive eli phupha ndiliphuphileyo.

37:7b.GEN.037.007 Yabonani, besibopha izithungu entsimini phakathi; saza isithungu sam sesuka sema; zaza izithungu zenu zasingqonga, zaqubuda kwisithungu sam.

37:8b.GEN.037.008 Abakhuluwa bakhe bathi kuye, Yinene na ukuba uya kuba ngukumkani phezu kwethu? Yinene na ukuba uya kusilawula? Kwaba kukhona bamtiyayo ngenxa yamaphupha akhe, nangenxa yamazwi akhe.

37:9b.GEN.037.009 Wabuya waphupha elinye iphupha, walixela kubakhuluwa bakhe, wathi, Yabonani, ndibuye ndaphupha iphupha; ndiphuphe ilanga nenyanga neenkwenkwezi ezilushumi elinanye ziqubuda kum.

37:10b.GEN.037.010 Wakuxela kuyise, nakubakhuluwa bakhe. Uyise wamkhalimela, wathi kuye, Liphupha lini na eli uliphuphileyo? Mna, nonyoko, nabakhuluwa bakho, soza size kuqubuda kuwe na emhlabeni?

37:11b.GEN.037.011 Abakhuluwa bakhe bammonela, ke yena uyise waligcina eli lizwi.

37:12b.GEN.037.012 Ke kaloku abakhuluwa bakhe baya kwalusa impahla emfutshane kayise kwaShekem.

37:13b.GEN.037.013 USirayeli wathi kuYosefu, Abakhuluwa bakho abalusi eShekem na? Yiza, ndikuthume kubo.

37:14b.GEN.037.014 Wathi yena kuye, Ndilapha. Wathi kuye, Khawuye kukhangela ukuphila kwabakhuluwa bakho, nokuphila kwempahla emfutshane; ubuye uze kundixelela. Wamthuma ke, emsusa entilini yaseHebron, waya eShekem.

37:15b.GEN.037.015 Wafunyanwa ngumfo, ebhadula endle; umfo lowo wambuza wathi, Ufuna ntoni na?

37:16b.GEN.037.016 Wathi, Ndifuna abakhuluwa bam; khawundixelele apho balusa khona.

37:17b.GEN.037.017 Wathi umfo, Bandulukile apha, kuba khendeva besithi, Masiye eDotan. UYosefu wabalandela abakhuluwa bakhe, wabafumana eDotan.

37:18b.GEN.037.018 Bambona ke esekude, engekasondeli kubo, benza iyelenqe lokumbulala.

37:19b.GEN.037.019 Bathetha omnye komnye besithi, Nanko lo mphuphi esiza.

37:20b.GEN.037.020 Yizani ke ngoko, simbulale, simphose komnye wemihadi, sithi, Udliwe lirhamncwa, size sibone ukuba amaphupha akhe oba yintoni na.

37:21b.GEN.037.021 Weva uRubhen, wamhlangula esandleni sabo; wathi, Masingambulali afe.

37:22b.GEN.037.022 Wathi uRhubhen kubo, Musani ukuphalaza gazi; mphoseni kulo mhadi usentlango; musani ukumsa sandla. Watsho, ukuze amhlangule esandleni sabo, ambuyisele kuyise.

37:23b.GEN.037.023 Kwathi akufika uYosefu kubakhuluwa bakhe, bamhluba uYosefu ingubo yakhe, ingubo ende enemikhono abenayo;

37:24b.GEN.037.024 bamthabatha, bamphosa emhadini; umhadi lowo ube uze, kungekho manzi kuwo.

37:25b.GEN.037.025 Bahlala phantsi, badla isonka; baphakamisa amehlo abo, bakhangela, nango umkhoko wamaIshmayeli uvela eGiliyadi, uneenkamela zithwele intlaka emhlophe, namafutha aqholiweyo, nentlaka emnandi, besihla nazo besiya eYiputa.

37:26b.GEN.037.026 UYuda wathi kubazalwana bakhe, Yinzuzoni na ukuthi simbulale umninawa wethu, sifihle igazi lakhe?

37:27b.GEN.037.027 Yizani sithengise ngaye kumaIshmayeli; isandla sethu masingabi phezu kwakhe, ngokuba ngumzalwana wethu, yinyama yethu. Bamphulaphula abazalwana bakhe.

37:28b.GEN.037.028 Adlula amaMidiyan lawo angabarhwebi; bamrhola, bamkhupha uYosefu emhadini, bathengisa ngoYosefu kumaIshmayeli ngeesilivere ezimashumi mabini; amsa uYosefu eYiputa.

37:29b.GEN.037.029 Wabuyela uRubhen emhadini. Yini? UYosefu akakho emhadini; wazidrazula iingubo zakhe.

37:30b.GEN.037.030 Wabuyela kubaninawa bakhe, wathi, Umfana akakho; mna ke ndosuka ndiye ngaphi na?

37:31b.GEN.037.031 Bayithabatha ingubo kaYosefu, baxhela inkunzi yebhokhwe exhonti, bayithi nkxu ingubo egazini.

37:32b.GEN.037.032 Bayithumela ingubo ende enemikhono ekhaya, bayisa kuyise, bathi, Siyichole; khawufanise, ukuba yingubo yonyana wakho, asiyiyo, sini na?

37:33b.GEN.037.033 Wayifanisa, wathi, Yingubo yonyana wam; udliwe lirhamncwa; inene, uqwengiwe uYosefu.

37:34b.GEN.037.034 UYakobi wazikrazula iingubo zakhe, wabeka ezirhwexayo esinqeni sakhe, wamenzela isijwili unyana wakhe imihla emininzi.

37:35b.GEN.037.035 Besuka bonke oonyana bakhe nazo zonke iintombi zakhe, beza kumthuthuzela; akavuma kuthuthuzelwa, wathi, Ndiya kuhla ndiye kunyana wam kwelabafileyo, ndisenza isijwili. Uyise wamlilela ke.

37:36b.GEN.037.036 AmaMidiyan aya athengisa ngaya eYiputa kuPotifare, umbusi wakwaFaro, umthetheli wabasiki.

38

38:1b.GEN.038.001 Kwathi ngelo xesha, wehla uYuda, esuka kubazalwana bakhe, waya wayimisa intente yakhe ngakwindoda yaseAdulam, egama linguHira.

38:2b.GEN.038.002 UYuda wabona khona intombi yendoda engumKanan, egama linguShuwa; wayizeka, wayingena.

38:3b.GEN.038.003 Yamitha, yazala unyana; wathi igama lakhe nguEre.

38:4b.GEN.038.004 Yabuya yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguOnan.

38:5b.GEN.038.005 Yabuya yaphinda yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguShela; wayeseKezibhi ukumzala kwakhe.

38:6b.GEN.038.006 UYuda wamzekela uEre, amazibulo akhe, umfazi ogama linguTamare.

38:7b.GEN.038.007 Ke uEre, amazibulo kaYuda, ubeneentlondi ezimbi emehlweni kaYehova; waza uYehova wambulala.

38:8b.GEN.038.008 UYuda wathi kuOnan, Yiya kumfazi womkhuluwa wakho, umngene, umvelisele imbewu umkhuluwa wakho.

38:9b.GEN.038.009 Wayesazi uOnan ukuba imbewu ayiyi kuba yeyakhe; wathi, xa sukuba esiya kumfazi womkhuluwa wakhe, wayiphalazela emhlabeni ukuze angamniki mbewu umkhuluwa wakhe.

38:10b.GEN.038.010 Kwaba kubi emehlweni kaYehova oko wakwenzayo; ngoko wambulala naye.

38:11b.GEN.038.011 Wathi uYuda kuTamare, umolokazana wakhe, Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akhule uShela, unyana wam; kuba wathi, Hleze afe naye, njengabakhuluwa bakhe. Wemka uTamare, waya kuhlala endlwini kayise.

38:12b.GEN.038.012 Zakuba ninzi iintsuku, yafa intombi kaShuwa, umkaYuda Akuthuthuzeleka uYuda, wenyuka waya kubachebi bempahla yakhe emfutshane, yena noHira, isihlobo sakhe saseAdulam, kwaTimna.

38:13b.GEN.038.013 Waxelelwa uTamare kwathiwa, Nanko uyihlozala, enyuka esiya kucheba impahla yakhe emfutshane kwaTimna.

38:14b.GEN.038.014 Wazisusa iingubo zobuhlolokazi bakhe, wazigqubuthela ngesigqubuthelo, wazithi wambu, wahlala phantsi esangweni le-Enayim, engasendleleni eya kwaTimna; kuba ubebona ukuba ukhulile uShela, akasiwa noko kuye ukuba abe ngumkakhe.

38:15b.GEN.038.015 UYuda wambona, waba ulihenyukazi, kuba ebegqubuthele ubuso.

38:16b.GEN.038.016 Wathi gu bucala, waya kuye endleleni wathi, Khawuze, ndikungene; kuba ubengazi ukuba ngumolokazana wakhe. Wathi, Wondinika ntoni na, ukuze ndikuvumele ukuba undingene?

38:17b.GEN.038.017 Wathi, Mna ndothumela ndithabathe itakane lebhokwe elisempahleni emfutshane. Wathi, Ewe, ukuba uthe wandinika isibambiso, ude ulithumele kum.

38:18b.GEN.038.018 Wathi, Ndikunike sibambiso sini na? Wathi yena, Umsesane wakho, nesidanga sakho, nomsimelelo wakho osesandleni sakho. Wamnika ke, wamngena, wamitha yena ngaye.

38:19b.GEN.038.019 Wesuka wemka, wasisusa isigqubuthelo sakhe, wambatha iingubo zobuhlolokazi bakhe.

38:20b.GEN.038.020 UYuda walithumela itakane lebhokhwe ngesandla sesihlobo sakhe saseAdulam, ukuze samkele isibambiso esandleni senkazana leyo; asiyifumananga ke.

38:21b.GEN.038.021 Sabuza kubantu baloo ndawo, sathi, Liphi na ing’awukazi ebe lise-Enayim ngasendleleni? Bathi, Akubangakho ng’awukazi apha.

38:22b.GEN.038.022 Sabuyela kuYuda sathi, Andilifumananga; nabo abantu baloo ndawo bathe, Akubangakho ng’awukazi apha.

38:23b.GEN.038.023 Wathi uYuda, Malizithabathe, hleze sidelwe. Yabona, ndithumele eli takane, ke wena akulifumananga.

38:24b.GEN.038.024 Kwathi, emva kweenyanga ezintathu, waxelelwa uYuda kwathiwa, UTamare, umolokazana wakho, uhenyuzile; kananjalo, yabona, umithi ngokuhenyuza oko. UYuda wathi, Mkhupheni atshiswe.

38:25b.GEN.038.025 Akukhutshwa, wathumela yena kuyisezala, wathi, Ndimithiswe yindoda ezizezayo ezi zinto; wathi, Khawufanise ukuba ngokabani na lo msesane, nesi sidanga, nalo msimelelo.

38:26b.GEN.038.026 Wazifanisa uYuda, wathi, Ulilungisa kunam; wenze kuba ndingamnikanga uShela, unyana wam. Akabanga sabuya amazi.

38:27b.GEN.038.027 Kwathi, ngexesha lokuzala kwakhe, nanku ingamawele esizalweni sakhe.

38:28b.GEN.038.028 Kwathi, ekuzaleni kwakhe, kwavela isandla; wathabatha umzalisikazi, wabopha esandleni salo usinga olubomvu, esithi, Eli laphuma kuqala.

38:29b.GEN.038.029 Kuthe ke, lakusibuyisa isandla salo, nanko kuphuma umzalwana walo. Wathi, Yini na ukuba uzityhobozele? Wathiywa ke igama lokuba nguPeretse.

38:30b.GEN.038.030 Kwathi emva koko, kwaphuma umzalwana walo, obenosinga olubomvu esandleni sakhe; wathiywa igama lokuba nguZera.

39

39:1b.GEN.039.001 Ke kaloku uYosefu wahliswa wasiwa eYiputa. UPotifare, umbusi wakwaFaro, umthetheli wabasiki, umYiputa, wamthenga kumaIshmayeli, abemhlisele khona.

39:2b.GEN.039.002 UYehova waba naye uYosefu, waba yindoda enempumelelo; waba sendlwini yenkosi yakhe, umYiputa lowo.

39:3b.GEN.039.003 Yabona inkosi yakhe ukuba uYehova unaye, ukuba zonke izinto abezenza, uYehova ubezenza zibe nempumelelo esandleni sakhe.

39:4b.GEN.039.004 UYosefu wababalwa emehlweni ayo, wayilungiselela; yamenza umveleli wendlu yayo, neento zonke ebinazo yazinikela esandleni sakhe.

39:5b.GEN.039.005 Kwathi, ukususela ekubeni yamenza umveleli wendlu yayo neento zonke ebinazo, wayisikelela uYehova indlu yomYiputa lowo ngenxa kaYosefu. Yabakho intsikelelo kaYehova ezintweni zonke ebinazo, endlwini nasezindle.

39:6b.GEN.039.006 Zonke izinto ebinazo yaziyekela esandleni sikaYosefu, ayakhathalela nanye into ebikuye, ingesiso isonka esidlayo. Ke uYosefu ebemhle isiqu, emhle imbonakalo.

39:7b.GEN.039.007 Kwathi emveni kwezi zinto, umfazi wenkosi yakhe waphosa amehlo akhe kuYosefu, wathi, Ndilale.

39:8b.GEN.039.008 Wamangala, wathi kumka-nkosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayikhathalele nto ikum isendlwini, nezinto zonke enazo izinikele esandleni sam.

39:9b.GEN.039.009 Akukho bani mkhulu kum kule ndlu; ayinqabisanga nento le kum, nguwe wedwa, ngokokuba ungumkayo; ndingathini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo?

39:10b.GEN.039.010 Kwathi, nakuba ebethetha kuYosefu imihla ngemihla, akamphulaphula yena ukuba alale ecaleni lakhe, nokuthi abe naye.

39:11b.GEN.039.011 Kwathi kuloo mihla, wangena endlwini eya kusebenza umsebenzi wakhe; kwaye kungekho nanye yakumadoda endlu endlwini apho.

39:12b.GEN.039.012 Wambamba ngengubo wathi, Ndilale. Wayishiya ingubo yakhe esandleni sakhe, wabaleka, waphumela phandle.

39:13b.GEN.039.013 Kwathi, akubona ukuba uyishiyile ingubo yakhe esandleni sakhe, ubalekele phandle,

39:14b.GEN.039.014 wabiza amadoda endlu yakhe, wathetha kuwo, esithi, Khangelani, usizisele indoda engumHebhere, ukuba idlale ngathi; izile kum, isiza kundilala, ndakhala ngezwi elikhulu;

39:15b.GEN.039.015 yathi, yakuva ndiphakamisa izwi, ndikhala, yayishiya ingubo yayo ecaleni lam, yabaleka, yaphumela phandle.

39:16b.GEN.039.016 Wayibeka phantsi ingubo yayo ecaleni lakhe, yada yafika inkosi yakhe endlwini yayo.

39:17b.GEN.039.017 Wathetha kuyo ngokwaloo mazwi esithi, Size kum isicaka esingumHebhere, esi usizisele sona, ukuba sidlale ngam;

39:18b.GEN.039.018 kuthe, ndakuliphakamisa izwi lam, ndikhala, sayishiya ingubo yaso ecaleni lam, sabalekela phandle.

39:19b.GEN.039.019 Ithe, yakuweva inkosi yakhe amazwi omkayo awawathethayo kuyo, esithi, Senjenje isicaka sakho kum, wavutha umsindo wayo.

39:20b.GEN.039.020 Inkosi kaYosefu yamthabatha, yamfaka entolongweni, kuloo ndawo apho amakhonkxwa okumkani abekhonkxwa khona, waba sentolongweni apho ke.

39:21b.GEN.039.021 UYehova ubenoYosefu, wamthobela inceba, wenza ukuba athandwe ngumphathi wentolongo.

39:22b.GEN.039.022 Umphathi wentolongo wawanikela kuYosefu onke amakhonkxwa asentolongweni, ukuze zonke izinto ezisukuba zisenziwa khona, abe nguye ozenzayo.

39:23b.GEN.039.023 Umphathi wentolongo akakhathalelanga nto isesandleni sakhe, ngenxa yokuba uYehova ubenaye; zonke izinto ebesakuzenza, uYehova ubeziphumelelisa.

40

40:1b.GEN.040.001 Kwathi emveni kwezi zinto, umngcamli wokumkani waseYiputa, nomoji wezonka zakhe, bayona inkosi yabo, ukumkani waseYiputa.

40:2b.GEN.040.002 UFaro waba noburhalarhume kubo ababusi bakhe bobabini, umphathi wabangcamli nomphathi waboji bezonka.

40:3b.GEN.040.003 Wabanikela elugcinweni, endlwini yomthetheli wabasiki entolongweni, endaweni abekhonkxelwe kuyo uYosefu.

40:4b.GEN.040.004 Umthetheli wabasiki wamenza uYosefu umveleli wabo, wabalungiselela; baba nomzuzu beselugcinweni.

40:5b.GEN.040.005 Baphupha iphupha bobabini; elowo waphupha iphupha lakhe ngabusuku bunye, elowo ngokokutyhilwa kwephupha lakhe, umngcamli nomoji wezonka bokumkani waseYiputa, ababekhonkxiwe entolongweni.

40:6b.GEN.040.006 UYosefu wangena kubo kwakusa, wabakhangela, wafika bematshekile.

40:7b.GEN.040.007 Wababuza ababusi bakwaFaro, ababenaye elugcinweni endlwini yenkosi yakhe, esithi, Kutheni na ukuba ubuso benu bube bubi namhlanje?

40:8b.GEN.040.008 Bathi kuye, Siphuphe iphupha; akukho ulityhilayo. UYosefu wathi kubo, Izityhilo asizezikaThixo na? Khanindixelele iphupha elo.

40:9b.GEN.040.009 Umphathi wabangcamli wamxelela uYosefu iphupha lakhe, wathi kuye, Ephupheni lam ndibone umdiliya uphambi kwam;

40:10b.GEN.040.010 emdiliyeni apho amasebe emathathu, wangathi wona uphuma amathupha, wadubula iintyantyambo zawo, izihloko zawo zavuthwa zaziidiliya;

40:11b.GEN.040.011 indebe kaFaro isesandleni sam; ndizithabathe iidiliya, ndizifaxange endebeni kaFaro, ndiyinikele indebe esandleni sikaFaro.

40:12b.GEN.040.012 UYosefu wathi kuye, Siso esi isityhilo salo: amasebe amathathu lawo yimihla emithathu;

40:13b.GEN.040.013 kusele imihla emithathu, aze uFaro ayiphakamise intloko yakho, akubuyisele endaweni yakho, uyinikele indebe kaFaro esandleni sakhe ngokwesiko langaphambili, oko ubungumngcamli wakhe.

40:14b.GEN.040.014 Uze undikhumbule ke, wakulungelwa, undenzele inceba, undikhankanye kuFaro, undikhuphe kule ndlu;

40:15b.GEN.040.015 ngokuba inene ndabiwa ezweni lamaHebhere, nalapha andenzanga nto, ukuba bandifake emhadini lo.

40:16b.GEN.040.016 Umphathi waboji-zonka wabona ukuba isityhilo eso silungile, wathi kuYosefu, Nam ndiphuphile; ndibone iingobozi ezintathu zezonka ezimhlophe ezisentlokweni yam;

40:17b.GEN.040.017 engobozini ephezulu kukho izidlo ngezidlo zonke zikaFaro ezingumsebenzi womoji-zonka, iintaka zisidla kweyona ngobozi iphezulu entlokweni yam.

40:18b.GEN.040.018 Waphendula uYosefu wathi, Siso esi isityhilo salo: iingobozi ezintathu ezo yimihla emithathu;

40:19b.GEN.040.019 kusele imihla emithathu, aze uFaro ayiphakamise intloko yakho, isuke kuwe, akuxhome emthini, ziyidle iintaka inyama yakho iphele.

40:20b.GEN.040.020 Kwathi ngomhla wasithathu, umhla wokuzalwa kukaFaro, wabenzela isidlo bonke abakhonzi bakhe, wayiphakamisa intloko yomphathi wabangcamli, nentloko yomphathi waboji bezonka phakathi kwabakhonzi bakhe.

40:21b.GEN.040.021 Wambuyisela umphathi wabangcamli kubungcamli bakhe; wayinikela indebe esandleni sikaFaro.

40:22b.GEN.040.022 Ke yena umphathi waboji bezonka wamxhoma, njengoko uYosefu wabatyhilelayo.

40:23b.GEN.040.023 Umphathi wabangcamli akamkhumbulanga uYosefu, wamlibala.

41

41:1b.GEN.041.001 Kwathi, ekupheleni kweminyaka emibini ezeleyo, uFaro waphupha emi phezu komlambo;

41:2b.GEN.041.002 nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amathokazi asixhenxe amahle, etyebile, esidla engcotyeni;

41:3b.GEN.041.003 nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, emabi, enqinile; ema ecaleni lamanye amathokazi lawo elunxwemeni lomlambo;

41:4b.GEN.041.004 asuka amathokazi amabi, anqinileyo, awadla amathokazi asixhenxe amahle, atyebileyo. Waphaphama uFaro.

41:5b.GEN.041.005 Walala waphupha okwesibini. Wabona izikhwebu ezisixhenxe ziphuma mcingeni mnye, zityebile, zilungile.

41:6b.GEN.041.006 Nanzo izikhwebu ezisixhenxe ezingcakacileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga, ziphuma emva kwazo;

41:7b.GEN.041.007 zesuka izikhwebu ezingcakacileyo zaziginya izikhwebu zosixhenxe ezityebileyo, ezichumileyo. Wavuka uFaro, O, liphupha!

41:8b.GEN.041.008 Kwathi kusasa, umoya wakhe wangqunga; wathumela, wazibiza zonke izazi zaseYiputa, izilumko zonke zakhona. UFaro wazixelela iphupha lakhe; akwabakho bani kuzo unokuwatyhila kuFaro.

41:9b.GEN.041.009 Wathetha umphathi wabangcamli kuFaro, esithi, Ndiyasikhumbula namhlanje isono sam.

41:10b.GEN.041.010 UFaro wayenoburhalarhume kubakhonzi bakhe, wandinikela elugcinweni endlwini yomthetheli wabasiki, mna lo, nomphathi waboji bezonka.

41:11b.GEN.041.011 Saphupha iphupha ngabusuku bunye, mna naye; walowo waphupha ngokutyhilwa kwephupha lakhe.

41:12b.GEN.041.012 Kwakukho kuthi umfana ongumHebhere isicaka somthetheli wabasiki, sasixelela, sasityhilela amaphupha ethu, samtyhilela elowo ngokwephupha lakhe.

41:13b.GEN.041.013 Kwathi, ngokoko sisityhileleyo, kwaba njalo; mna wandibuyisela endaweni yam, omnye lowo wamxhoma.

41:14b.GEN.041.014 UFaro wathumela, wambiza uYosefu. Bamgidimisa ukumkhupha emhadini; wazicheba, wanxiba ngubo zimbi, weza kuFaro.

41:15b.GEN.041.015 Wathi uFaro kuYosefu, Ndiphuphe iphupha, akukho bani unokulityhila; mna ndive kusithiwa ngawe, uyaliva iphupha ulityhile.

41:16b.GEN.041.016 UYosefu wamphendula uFaro, esithi, Akunam; uThixo uya kuphendula into yokumsindisa uFaro.

41:17b.GEN.041.017 UFaro wathetha kuYosefu, wathi, Ephupheni lam, yabona, bendimi elunxwemeni lomlambo;

41:18b.GEN.041.018 nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amathokazi asixhenxe etyebile, emahle, esidla engcotyeni;

41:19b.GEN.041.019 nanko, kunyuka kuphuma amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, ebhityile, emabi kakhulu, engamarhoqorhoqo, endingazanga ndibone anjalo kulo lonke ilizwe laseYiputa, ukuba mabi kwawo;

41:20b.GEN.041.020 amathokazi angamarhoqorhoqo, amabi, awadla awokuqala amathokazi asixhenxe atyebileyo;

41:21b.GEN.041.021 angena embilinini wawo akwazeka ukuba angenile embilinini wawo; imbonakalo yawo yambi, njengasekuqaleni. Ndaphaphama.

41:22b.GEN.041.022 Ndabona ephupheni lam, izikhwebu ezisixhenxe ziphuma micingeni mnye, zichumile, zilungile;

41:23b.GEN.041.023 nanzo, izikhwebu ezisixhenxe zishwabene, zingcakacile, zitshile lulophu lwasempumalanga, zihluma emva kwazo.

41:24b.GEN.041.024 Zesuka izikhwebu ezingcakacileyo, zaziginya izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo. Ndathetha nezazi; akukho bani kuzo undixelelayo.

41:25b.GEN.041.025 UYosefu wathi uFaro, Iphupha likaFaro linye; uThixo umxelele uFaro oko aya kukwenza.

41:26b.GEN.041.026 Amathokazi asixhenxe alungileyo yiminyaka esixhenxe; izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo yiminyaka esixhenxe; iphupha eli linye.

41:27b.GEN.041.027 Amathokazi asixhenxe angamarhoqorhoqo, amabi, anyukileyo aphuma emva kwalawo, yiminyaka esixhenxe; nezikhwebu ezisixhenxe ezinqinileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga, ziya kuba yiminyaka esixhenxe yendlala.

41:28b.GEN.041.028 Lelo lizwi ndilithethileyo kuFaro lokuthi: oko aya kukwenza uThixo ukubonisile kuFaro.

41:29b.GEN.041.029 Yabona, kuza iminyaka esixhenxe yendyebo enkulu ezweni lonke laseYiputa;

41:30b.GEN.041.030 ze kuvele iminyaka esixhenxe yendlala emva kwaleyo, ilityalwe yonke indyebo ezweni laseYiputa, indlala iligqibe ilizwe;

41:31b.GEN.041.031 ingaziwa indyebo elizweni, ngenxa yaloo iya kubakho emva kwayo, kuba iya kuba nzima kunene.

41:32b.GEN.041.032 Ukuphindwa kabini kwephupha elo kuFaro kukuqiniswa kwayo le ndawo nguThixo; uya kukhawuleza uThixo ukuyenza.

41:33b.GEN.041.033 Ngoko uFaro makakhangele indoda eyingqondi, esisilumko, ayimise phezu kwelizwe laseYiputa.

41:34b.GEN.041.034 Makenze le nto uFaro, alimisele abaveleli ilizwe, athabathe isihlanu selizwe laseYiputa ngeminyaka yosixhenxe yendyebo.

41:35b.GEN.041.035 Mababuthe konke ukudla kwaloo minyaka ilungileyo izayo, bafumbe ingqolowa phantsi kwesandla sikaFaro, ibe kukudla emizini, bayigcine;

41:36b.GEN.041.036 oko kudla kube yinto ebekelwe ilizwe iminyaka yosixhenxe yendlala, eya kubakho ezweni laseYiputa, lingatshabalali ilizwe yindlala.

41:37b.GEN.041.037 Lalunga elo zwi emehlweni kaFaro nasemehlweni abo bonke abakhonzi bakhe.

41:38b.GEN.041.038 UFaro wathi kubakhonzi bakhe, Sinokumfumana na umntu onje, onoMoya kaThixo?

41:39b.GEN.041.039 UFaro wathi kuYosefu, Ekubeni uThixo ekwazisile konke oku, akukho bani uyingqondi, usisilumko, njengawe.

41:40b.GEN.041.040 Uya kuba phezu kwendlu yam wena, bawuthobele umlomo wakho bonke abantu bam; kusetroneni yodwa endiya kuba mkhulu kuwe.

41:41b.GEN.041.041 UFaro wathi kuYosefu, Khangela, ndikumise phezu kwalo lonke ilizwe laseYiputa.

41:42b.GEN.041.042 Wawukhulula uFaro umsesane wakhe esandleni sakhe, wawufaka esandleni sikaYosefu, wamambathisa iingubo zelinen ecikizekileyo, wanxiba umxokelelwane wegolide entanyeni yakhe.

41:43b.GEN.041.043 Wamkhwelisa enqwelweni yesibini abenayo, kwamenyezwa phambi kwakhe, kwathiwa, Guqani! Wammisa phezu kwalo lonke ilizwe laseYiputa.

41:44b.GEN.041.044 Wathi uFaro kuYosefu, NdinguFaro; ngaphandle kwakho, akukho bani uya kuphakamisa sandla sakhe, nalunyawo lwakhe, ezweni lonke laseYiputa.

41:45b.GEN.041.045 UFaro wamthiya uYosefu igama lokuba nguTsafenati-paneha, wamnika uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ukuba abe ngumkakhe. Waphuma uYosefu, walihamba ilizwe laseYiputa.

41:46b.GEN.041.046 UYosefu wayeminyaka imashumi mathathu ezelwe, ukuma kwakhe phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; waphuma uYosefu ebusweni bukaFaro, walicanda lonke ilizwe laseYiputa.

41:47b.GEN.041.047 Umhlaba wavelisa ngendiphane ngeminyaka esixhenxe yendyebo.

41:48b.GEN.041.048 Wakubutha konke ukudla kweminyaka esixhenxe ebikho ezweni laseYiputa, wakubeka ukudla kuyo imizi; ukudla kwamasimi abewungqongile umzi, wakubeka phakathi kwawo.

41:49b.GEN.041.049 UYosefu wayifumba ingqolowa yanjengentlabathi yolwandle, yaninzi kunene, wada wayeka ukubala, kuba ibingenakubalwa.

41:50b.GEN.041.050 UYosefu wazala oonyana bababini, wabazalelwa nguAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ingekafiki iminyaka yendlala.

41:51b.GEN.041.051 UYosefu wamthiya owamazibulo igama elinguManase; ngokuba wathi, UThixo undenze ndakulibala konke ukwaphuka kwam, nayo yonke indlu kabawo.

41:52b.GEN.041.052 Owesibini wamthiya igama elinguEfrayim; ngokuba wathi, UThixo undiqhamisile ezweni leentsizi zam.

41:53b.GEN.041.053 Yaphela ke iminyaka yosixhenxe yendyebo ebisezweni laseYiputa.

41:54b.GEN.041.054 Yaqala ukufika iminyaka yosixhenxe yendlala, njengoko wayekuthethile uYosefu. Yabakho indlala kumazwe onke; ke ezweni lonke laseYiputa kwakukho isonka.

41:55b.GEN.041.055 Lonke ilizwe laseYiputa laba nendlala; abantu bakhalela isonka kuFaro; wathi uFaro kuwo onke amaYiputa, Yiyani kuYosefu; athe wakuthetha kuni nize nikwenze.

41:56b.GEN.041.056 Indlala yaba sezweni lonke; uYosefu wazivula zonke izindlu ezinokudla, wathengisa ngengqolowa kumaYiputa; kuba indlala yaba namandla ezweni laseYiputa.

41:57b.GEN.041.057 Lesuka ilizwe liphela, leza kuthenga ingqolowa kuYosefu eYiputa, kuba indlala ibinamandla kulo lonke.

42

42:1b.GEN.042.001 Wabona uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wathi uYakobi koonyana bakhe, Yini na ukuba nikhangelane?

42:2b.GEN.042.002 Wathi, Yabonani, ndivile ukuba kukho ingqolowa eYiputa; yihlani niye khona, nisithengele ingqolowa, siphile, singafi.

42:3b.GEN.042.003 Behla abakhuluwa bakaYosefu abalishumi, beya kuthenga ingqolowa eYiputa.

42:4b.GEN.042.004 Kodwa uBhenjamin, umninawa kaYosefu, uYakobi akamthumanga nabakhuluwa bakhe; kuba wathi, hleze ahlelwe yingozi.

42:5b.GEN.042.005 Oonyana bakaSirayeli beza kuthenga ingqolowa phakathi kwabo bezayo; kuba indlala ibikho ezweni lakwaKanan.

42:6b.GEN.042.006 UYosefu wayengumlawuli welizwe elo; yena wayethengisa ngengqolowa kubo bonke abantu belizwe elo; bafika ke abakhuluwa bakaYosefu, baqubuda kuye ngobuso emhlabeni.

42:7b.GEN.042.007 UYosefu wababona abakhuluwa bakhe, wabazi, wazenza ongabaziyo, wathetha nabo kalukhuni, wathi kubo, Nivela phi na? Bathi, Sivela ezweni lakwaKanan, size kuthenga ukudla.

42:8b.GEN.042.008 UYosefu wabazi abakhuluwa bakhe; ke bona abamnakananga.

42:9b.GEN.042.009 Wawakhumbula uYosefu amaphupha abewaphuphile ngabo, wathi kubo, Niziintlola nina; nize kubona ubuze belizwe eli.

42:10b.GEN.042.010 Bathi kuye, Hayi, nkosi; abakhonzi bakho baze kuthenga ukudla.

42:11b.GEN.042.011 Sonke siphela singoonyana bamfo mnye; siyalungisa, abakhonzi bakho abazizo iintlola.

42:12b.GEN.042.012 Wathi kubo, Hayi, nize kubona ubuze belizwe eli.

42:13b.GEN.042.013 Bathi, Abakhonzi bakho balishumi elinababini; siyazalana, singoonyana bamfo mnye ezweni lakwaKanan. UYabona, omncinane ukubawo namhla, omnye akakho.

42:14b.GEN.042.014 Wathi uYosefu kubo, Yile nto bendiyithetha kuni, ndisithi, Niziintlola.

42:15b.GEN.042.015 Niya kucikidwa ngale ndawo: ehleli nje uFaro, anisayi kuphuma apha, ukuba akathanga eze apha umninawa wenu omncinane.

42:16b.GEN.042.016 Thumani omnye kuni apha, aphuthume umninawa wenu, nikhonkxwe nina; acikidwe amazwi enu ukuba ninenyaniso na; ukuba akubanga njalo, ehleli nje uFaro, inene noba niziintlola.

42:17b.GEN.042.017 Wabanikela bonke elugcinweni imihla yamithathu.

42:18b.GEN.042.018 UYosefu wathi kubo ngomhla wesithathu, Yenzani oku, niphile; kuba ndiyamoyika uThixo.

42:19b.GEN.042.019 Ukuba ninyanisile, omnye umzalwana kuni apha makakhonkxwe endlwini yokugcinwa kwenu, nihambe nina, niyise ingqolowa ngenxa yendlala yezindlu zenu.

42:20b.GEN.042.020 Umninawa wenu omncinane nimzise kum; okholeka ke amazwi enu, ningafi.

42:21b.GEN.042.021 Benjenjalo ke. Bathetha omnye komnye besithi, Inyaniso, sinetyala ngenxa yomninawa wethu, sabe sikubona nje ukubandezeleka komphefumlo wakhe, oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; kungenxa yoko le nto kusifikeleyo oku kubandezeleka.

42:22b.GEN.042.022 Wabaphendulu uRubhen esithi, Ndabe ndingatsho na kuni ukuthi, Musani ukumona umfana? Anaphulaphula; yabonani ke, igazi lakhe liyabizwa.

42:23b.GEN.042.023 Babengazi bona ukuba uYosefu uyeva, kuba kwakumi umkhumshi phakathi kwabo.

42:24b.GEN.042.024 Wathi guququ, walila; wabuya weza kubo, wathetha nabo, wamthabatha uSimon kubo, wamkhonkxa bekhangele.

42:25b.GEN.042.025 Wawisa umthetho uYosefu wokuba zizaliswe iingxowa zabo ngengqolowa, imali yabo ibuyiselwe kulowo nalowo engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela; kwenjiwa njalo ke kubo.

42:26b.GEN.042.026 Bawabopha ingqolowa amaesile abo, bemka ke apho.

42:27b.GEN.042.027 Uthe ke omnye akuyivula ingxowa yakhe, ukuba aphe iesile lakhe iindiza apho balalisa khona, wayibona imali yakhe, esemlonyeni wengxowa yakhe.

42:28b.GEN.042.028 Wathi kubazalwana bakhe, Ibuyisiwe imali yam; nantsi ikho nokubakho engxoweni yam. Baphela amandla, bakhangelana begubha, bathi, Yintoni na le ayenzileyo uThixo kuthi?

42:29b.GEN.042.029 Bafika kuYakobi uyise ezweni lakwaKanan, bamxelela yonke into ebahleleyo, besithi,

42:30b.GEN.042.030 Indoda, inkosi yelo zwe, yathetha nathi kalukhuni, yathi siziintlola zelo zwe.

42:31b.GEN.042.031 Sathi kuyo, Sinyanisile;

42:32b.GEN.042.032 asizizo iintlola, singabazalwana abalishumi elinababini, oonyana bakabawo; omnye akakho, omncinane ukubawo namhla, ezweni lakwaKanan.

42:33b.GEN.042.033 Indoda leyo, inkosi yelo zwe, yathi kuthi, Ndiya kwazi ngale ndawo ukuba ninyanisile: shiyani abe mnye umzalwana wenu kum apha, niphathele izindlu zenu ukudla ngenxa yendlala, nihambe;

42:34b.GEN.042.034 nimzise umninawa wenu omncinane kum, ndize ndazi ukuba ninyanisile, anizizo iintlola; ndimnikele kuni umzalwana wenu, nirhwebe ezweni apha.

42:35b.GEN.042.035 Kwathi, bakukhuphela iingxowa zabo, babona isiqhuma semali salowo nalowo engxoweni yakhe; bakuzibona iziqhuma zabo zemali boyika, bona noyise.

42:36b.GEN.042.036 Wathi kubo uYakobi uyise, Nindihluthe abantwana; uYosefu akakho, uSimon akakho, niza kuthabatha noBhenjamin; zikhwele kum zonke ezo zinto.

42:37b.GEN.042.037 Wathi uRubhen kuyise, Babulale bobabini oonyana bam, ukuba andithanga ndimzise kuwe; mnikele esandleni sam, ndombuyisela kuwe mna.

42:38b.GEN.042.038 Wathi yena, Unyana wam akasayi kuhla nani; ngokuba ufile umkhuluwa wakhe, yena usele yedwa. Ukuba uthe wahlelwa yingozi endleleni eniyihambayo, izimvi zam nozithobela kwelabafileyo ndinesingqala.

43

43:1b.GEN.043.001 Indlala yayinzima kwelo zwe.

43:2b.GEN.043.002 Kwathi, bakuba begqibile ukuyidla ingqolowa ababeze nayo bevela eYiputa, wathi uyise kubo, Buyani niye kusithengela intwana yokudla.

43:3b.GEN.043.003 Wathi uYuda kuye, Indoda leyo yaqononondisa kuthi, yathi, Aniyi kububona ubuso bam, engabangakho nani umninawa wenu.

43:4b.GEN.043.004 Ukuba uthe wamthuma umninawa wethu nathi, sohla siye kukuthengela ukudla.

43:5b.GEN.043.005 Ukuba akuthanga umthume, asiyi kuhla; kuba indoda leyo yathi kuthi, Aniyi kububona ubuso bam, engabangakho nani umninawa wenu.

43:6b.GEN.043.006 USirayeli wathi, Yini na ukuba nindenzele ububi, niyixelele indoda leyo ukuthi, nisenomninawa?

43:7b.GEN.043.007 Bathi, Indoda leyo yabuza kunene ngathi nangemizalwana yethu, isithi, Usaphilile na uyihlo? Nisenomninawa na? Sayixelela ngokwaloo mazwi. Besisazi yini na ukuba ibiya kuthi, Yihlani nomninawa wenu?

43:8b.GEN.043.008 UYuda wathi kuSirayeli uyise, Mthume nam umfana, sisuke sihambe, siphile, singafi thina, nawe, nabantwana bethu.

43:9b.GEN.043.009 Mna ndiya kummela, wombiza esandleni sam; ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndimbeke phambi kwakho, mandibe netyala kuwe yonke imihla yam.

43:10b.GEN.043.010 Kuba, ukuba besingazilazilanga, inene ngesiba ngoku sesibuye okwesibini.

43:11b.GEN.043.011 USirayeli uyise wathi kubo, Ukuba kunjalo okunene, yenzani ke oku: thabathani kwezinconywayo izinto zelizwe eli, nizifake ezingxoweni zenu, nihle niyisele indoda leyo umnikelo: intwana yamafutha aqholiweyo, nentwana yencindi yobusi, nentlaka emhlophe, nentlaka emnandi, neenkozo zepistasi, neeamangile.

43:12b.GEN.043.012 Phathani enye imali esandleni senu; naloo mali yabuyiswayo emlonyeni weengxowa zenu, buyani nayo esandleni senu; mhlawumbi sisiphosiso.

43:13b.GEN.043.013 Nomninawa wenu mthabatheni, ninduluke, nibuyele kwindoda leyo.

43:14b.GEN.043.014 Ngamana uThixo uSomandla waniphatha ngemfesane phambi kwendoda leyo, ukuba inikhululele omnye umzalwana wenu lowo noBhenjamin. Mna, ukuba ndihluthiwe abantwana, ndihluthiwe.

43:15b.GEN.043.015 Amadoda lawo awuthabatha loo mnikelo, neemali zombini aziphatha esandleni sawo, noBhenjamin, asuka ehla aya eYiputa, ema phambi koYosefu.

43:16b.GEN.043.016 UYosefu wambona uBhenjamin enabo, wathi kumphathi wendlu yakhe, Wangenise loo madoda endlwini, uxhele, ulungise; kuba la madoda aya kudla nam emini enkulu.

43:17b.GEN.043.017 Indoda leyo yenza njengoko watshoyo uYosefu; indoda yawangenisa amadoda endlwini kaYosefu.

43:18b.GEN.043.018 Amadoda oyika, ngokuba engeniswe endlwini kaYosefu, athi, Kungenxa yemali eyayibuyiselwe ezingxoweni zethu ekuqaleni, le nto singeniswe apha; ukuze agaleleke phezu kwethu, asiwele, asithabathe sibe ngamakhoboka, kwanamaesile ethu.

43:19b.GEN.043.019 Asondela kuloo ndoda iphethe indlu kaYosefu, athetha nayo emnyango wendlu, athi, Tarhu, nkosi!

43:20b.GEN.043.020 Sehla okunene ekuqaleni, sisiza kuthenga ukudla.

43:21b.GEN.043.021 Kwathi, sakufika endaweni yokulalisa, sazivula iingxowa zethu, kwavela imali yalowo nalowo emlonyeni wengxowa yakhe, imali yethu ngomlinganiso wayo. Sibuye nayo ke siyiphethe.

43:22b.GEN.043.022 Nenye imali sihle seza nayo esandleni sethu, ukuba sithenge ukudla; asimazi oyifakileyo imali ezingxoweni zethu.

43:23b.GEN.043.023 Yathi, Xolani, musani ukoyika; uThixo wenu, uThixo kayihlo, uninikile ubutyebi ezingxoweni zenu; imali yenu ndayamkela. Yabakhuphela uSimon.

43:24b.GEN.043.024 Indoda leyo yawangenisa amadoda endlwini kaYosefu, yawanika amanzi, ahlamba iinyawo zawo; yawapha iindiza amaesile awo.

43:25b.GEN.043.025 Umnikelo lowo awulungisela ukufika kukaYosefu emini enkulu; kuba ebeve kusithiwa aya kudla isonka khona.

43:26b.GEN.043.026 Wangena uYosefu endlwini; amzisela endlwini umnikelo obusesandleni sawo, aqubuda kuye emhlabeni.

43:27b.GEN.043.027 Wawabuza ukuphila kwawo, wathi, Uyihlo usaphilile na, ixhego enanithethe ngalo? Usadla ubomi na?

43:28b.GEN.043.028 Athi, Usaphilile ubawo umkhonzi wakho, usadla ubomi. Bathoba baqubuda.

43:29b.GEN.043.029 Wawaphakamisa amehlo akhe, wambona uBhenjamin umninawa wakhe, umntwana kanina, wathi, Nguye na lo umninawa wenu omncinane, enibe nithetha ngaye kum? Wathi, Ngamana uThixo wakubabala, nyana wam.

43:30b.GEN.043.030 Wakhawuleza uYosefu; kuba wasikwa yimfesane ngenxa yomninawa wakhe, wafuna indawo angalilela kuyo, wangena engontsini, walila khona.

43:31b.GEN.043.031 Waza wahlamba ubuso bakhe, waphuma ezibambile, wathi, Bekani isonka.

43:32b.GEN.043.032 Bambekela yedwa, bababekela bodwa bona, bawabekela odwa amaYiputa abesidla naye; kuba amaYiputa akanakudla sonka namaHebhere; kuba lisikizi elo kumaYiputa.

43:33b.GEN.043.033 Bhalala phantsi phambi kwakhe, owamazibulo ngokobuzibulo bakhe, omncinane ngokobuncinane bakhe. Amadoda akhangelana ethe manga.

43:34b.GEN.043.034 Aselwa izabelo ezisuka phambi kwakhe; ke isabelo sikaBhenjamin saba sikhulu kahlanu kwizabelo zabo bonke bephela. Basela, baba mnandi benaye.

44

44:1b.GEN.044.001 Wamwisela umthetho umphathi wendlu, esithi, Zizalise iingxowa zala madoda ngokudla, njengoko zinako ukukhongozela, uyibeke imali yalowo nalowo emlonyeni wengxowa yakhe;

44:2b.GEN.044.002 uyibeke indebe yam, indebe yesilivere, emlonyeni wengxowa yomncinane, nemali yengqolowa yakhe. Wenza ke ngokwelizwi likaYosefu abelithethile.

44:3b.GEN.044.003 Kwakuthi qhiphu ukusa, andululwa loo madoda, wona namaesile awo.

44:4b.GEN.044.004 Akubona ukuba aphumile emzini, engekayi kude, wathi uYosefu kumphathi wendlu yakhe, Suka, uwasukele laa madoda; wakuwafumana uze uthi kuwo, Yini na ukuba niphindezele okulungileyo ngokubi?

44:5b.GEN.044.005 Le nto asiyile na inkosi yam isela ngayo, ihlabe nezihlabo ngayo? Yinto embi le nto niyenzileyo.

44:6b.GEN.044.006 Wawafumana, wathetha kuwo loo mazwi.

44:7b.GEN.044.007 Athi kuye, Yini na ukuba inkosi yam ithethe ngokwaloo mazwi? Makube lee kubakhonzi bakho ukwenza ngokwelo lizwi.

44:8b.GEN.044.008 Uyabona, imali esayifumanayo emlonyeni weengxowa zethu, sayibuyisela kuwe, sivela ezweni lakwaKanan. Singathini na ke ukuba endlwini yenkosi yakho isilivere nokuba yigolide?

44:9b.GEN.044.009 Osukuba ifunyenwe kuye phakathi kwabakhonzi bakhe, makafe; kananjalo thina sibe ngamakhoboka enkosini yam.

44:10b.GEN.044.010 Wathi, Makube njengokwamazwi enu; ke ngoko osukuba ifunyenwe kuye, woba sisicaka sam, ke nina noba msulwa.

44:11b.GEN.044.011 Bakhawuleza, bathula elowo ingxowa yakhe, bayibeka emhlabeni, bavula elowo ingxowa yakhe.

44:12b.GEN.044.012 Wagquthagqutha, eqalela komkhulu, egqibela komncinane; yafunyanwa indebe engxoweni kaBhenjamin.

44:13b.GEN.044.013 Bazikrazula iingubo zabo, babopha elowo iesile lakhe, babuyela kuloo mzi.

44:14b.GEN.044.014 Wafika uYuda nabazalwana bakhe endlwini kaYosefu; ubesekhona yena. Bawa phambi kwakhe emhlabeni.

44:15b.GEN.044.015 UYosefu wathi kubo, Sisenzo sini na esi nisenzileyo? Beningazi na ukuba indoda enjengam nje ibingahlaba izihlabo?

44:16b.GEN.044.016 UYuda wathi, Siya kuthini na enkosini yam? Siya kuthetha ntoni na? Siya kuzihlamba njani na? UThixo ubufumene ubugwenxa babakhonzi bakho; yabona, singabakhonzi benkosi yam, thina aba, nalowa indebe ifunyenwe esandleni sakhe.

44:17b.GEN.044.017 Wathi, Makube lee kum ukwenza loo nto; indoda efunyenwe esandleni sayo indebe, yiyo eya kuba sisicaka kum; ke nina nyukani nixolile, niye kuyihlo.

44:18b.GEN.044.018 UYuda wasondela kuye, wathi, Tarhu, nkosi yam! Makhe athethe ilizwi umkhonzi wakho ezindlebeni zinkosi yam; mawungavuthi umsindo wakho ngakumkhonzi wakho, ngokuba ungangoFaro wena.

44:19b.GEN.044.019 Yababuza inkosi yam abakhonzi bayo, isithi, Ninoyihlo na? Ninomninawa na?

44:20b.GEN.044.020 Sathi thina enkosini yam, Sinobawo ixhego, nomntwana wobuxhego bakhe omncinane; umkhuluwa wakhe wafa, yena usele yedwa kunina, uyise uyamthanda.

44:21b.GEN.044.021 Wathi ke wena kubakhonzi bakho, Yihlani naye eze kum, ndiwamise amehlo am kuye.

44:22b.GEN.044.022 Sathi thina kwinkosi yam, Umfana lowo akanako ukumshiya uyise; emshiyile, uyise angafa.

44:23b.GEN.044.023 Wathi wena kubakhonzi bakho, Ukuba umninawa wenu omncinane akathanga ehle nani, aniyi kubuya nibubone ubuso bam.

44:24b.GEN.044.024 Kwathi, xenikweni senyukayo saya kumkhonzi wakho ongubawo, samxelela amazwi enkosi yam.

44:25b.GEN.044.025 Wathi ubawo, Buyani niye kusithengela intwana yokudla.

44:26b.GEN.044.026 Sathi, Asinakuhla. Ukuba umninawa wethu omncinane unathi, sohla; kuba asinakububona ubuso bendoda leyo, engenathi umninawa wethu omncinane.

44:27b.GEN.044.027 Wathi ubawo umkhonzi wakho kuthi, Niyazi nina, ukuba umkam wandizalela oonyana ababini.

44:28b.GEN.044.028 Omnye waphuma kum, ndathi, Inene, uqwengiwe; andimbonanga unangoku.

44:29b.GEN.044.029 Nimthabatha nje nalo ebusweni bam, ethe wahlelwa yingozi, nozihlisela izimvi zam zinobubi kwelabafileyo.

44:30b.GEN.044.030 Ngoko ke, ukuba ndithe ndafike kubawo umkhonzi wakho, engenathi umfana (umphefumlo wakhe ubotshwe nomphefumlo wakhe nje),

44:31b.GEN.044.031 kothi, akubona ukuba akakho umfana, afe, nabakhonzi bakho bahlise izimvi zomkhonzi wakho ubawo enesingqala, ziye kwelabafileyo.

44:32b.GEN.044.032 Kuba umkhonzi wakho lo wammela umfana lowo kubawo, ndisithi, Ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndoba netyala kubawo yonke imihla yam.

44:33b.GEN.044.033 Ngoko makahlale umkhonzi wakho lo esikhundleni somfana, ndibe likhoboka enkosini yam mna; umfana anyuke nabakhuluwa bakhe.

44:34b.GEN.044.034 Kuba ndingathini na ukunyuka ndiye kubawo, engenam umfana? hleze ndibubone ububi obomfumana ubawo.

45

45:1b.GEN.045.001 UYosefu akabanga nakuzibamba phambi kwabo bonke ababemi ngakuye. Wadanduluka wathi, Khuphani bonke abantu, bemke kum. Akwabakho mntu umi ngakuye ekuzaziseni kukaYosefu kubazalwana bakhe.

45:2b.GEN.045.002 Wasibeka isililo; eva amaYiputa, yeva nendlu kaFaro.

45:3b.GEN.045.003 Wathi uYosefu kubazalwana bakhe, NdinguYosefu; usaphilile na ubawo? Ababa nako ukumphendula abazalwana bakhe; kuba bakhwankqiswa phambi kwakhe.

45:4b.GEN.045.004 Wathi, uYosefu kubazalwana bakhe, Khanisondele kum apha. Basondela. Wathi, NdinguYosefu, umzalwana wenu, enathengisayo ngaye eYiputa.

45:5b.GEN.045.005 Ngoko musani ukuba buhlungu, ningaziqumbeli, ukuba nathengisa ngam apha; kuba uThixo wandithuma phambi kwenu ukuze ndisindise abantu.

45:6b.GEN.045.006 Kuba ngoku iminyaka mibini indlala ikho phakathi kwelizwe; isemihlanu iminyaka ezayo, ekungayi kubakho kulima nakuvuna ngayo.

45:7b.GEN.045.007 UThixo undithume phambi kwenu, ukuba ndinimisele amasalela ezweni, ukuba ndisindise ubomi benu, ibe kukusinda okukhulu.

45:8b.GEN.045.008 Ngoko ke asinini abandithume apha, nguThixo; wandenza uyise kuFaro, nenkosi phezu kwayo yonke indlu yakhe, nomlawuli ezweni lonke laseYiputa.

45:9b.GEN.045.009 Khawulezani, ninyuke niye kubawo, nithi kuye, Utsho unyana wakho uYosefu ukuthi, UThixo undenze inkosi kuyo yonke iYiputa; yihla uze kum, musa ukulibala.

45:10b.GEN.045.010 Wohlala ezweni laseGoshen, ube kufuphi kum, wena, noonyana bakho, noonyana boonyana bakho, nempahla yakho emfutshane, neenkomo zakho, nezinto zonke onazo;

45:11b.GEN.045.011 ndikondle khona, kuba isaya kuba mihlanu iminyaka yendlala; hleze uhlwempuzeke wena, nendlu yakho, nento yonke onayo.

45:12b.GEN.045.012 Yabonani, amehlo enu ayabona, namehlo omninawa wam uBhenjamin, ukuba ngumlomo wam lo uthethayo kuni.

45:13b.GEN.045.013 Nize nimxelele ubawo lonke uzuko lwam eYiputa, nezinto zonke enizibonileyo, nikhawuleze nihle nobawo, eze apha.

45:14b.GEN.045.014 Wawa entanyeni kaBhenjamin, umninawa wakhe, walila; uBhenjamin walila entanyeni yakhe.

45:15b.GEN.045.015 Wabanga bonke abazalwana bakhe, walila phezu kwabo. Emveni koko, abazalwana bakhe bathetha naye.

45:16b.GEN.045.016 Lavakala izwi endlwini kaFaro, lisithi, Bafikele abazalwana bakaYosefu. Kwalunga oko emehlweni kaFaro, nasemehlweni abakhonzi bakhe.

45:17b.GEN.045.017 Wathi uFaro kuYosefu, Yithi kubazalwana bakho, Yenzani oku: bophani amaqegu enu, nihambe niye ezweni lakwaKanan,

45:18b.GEN.045.018 nithabathe uyihlo nezindlu zenu, nise kum apha. Ndoninika izinto ezilungileyo zelizwe laseYiputa, nidle ukutyeba kwelizwe.

45:19b.GEN.045.019 Wena ke uwiselwe umthetho, yenzani oku; bathabatheleni abantwana benu, nabafazi benu, iinqwelo ezweni laseYiputa, nithwale uyihlo, nize.

45:20b.GEN.045.020 Iliso lenu malingabi nanceba empahleni yenu, kuba zonke izinto ezilungileyo zelizwe lonke laseYiputa zezenu.

45:21b.GEN.045.021 Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli. UYosefu wabanika iinqwelo ngokomthetho kaFaro; wabanika nomphako wendlela.

45:22b.GEN.045.022 Wabanika bonke elowo iingubo zokukhululana. Wamnika uBhenjamin iisilivere ezimakhulu mathathu, neengubo ezintlanu zokukhululana.

45:23b.GEN.045.023 Kuyise wathumela ezilolu hlobo: amaesile alishumi, ethwele izinto ezilungileyo zaseYiputa, neemazi zamaesile ezilishumi, zithwele ingqolowa, nesonka, nomphako kayise wendlela.

45:24b.GEN.045.024 Wabandulula ke abazalwana bakhe, bahamba; wathi kubo, Ize ningaxabani endleleni.

45:25b.GEN.045.025 Benyuka, bemke ke eYiputa, bafika ezweni lakwaKanan kuYakobi uyise.

45:26b.GEN.045.026 Bamxelela besithi, UYosefu usahleli; ewe, ungumphathi welizwe lonke laseYiputa. Yaqoba intliziyo yakhe, kuba ebengakholwa ngabo.

45:27b.GEN.045.027 Bawathetha kuye onke amazwi kaYosefu, abewathethile kubo. Wazibona iinqwelo abezithumele uYosefu, ukuba zimthwale; waza waphila umoya kaYakobi uyise.

45:28b.GEN.045.028 Wathi uSirayeli, Kwanele. UYosefu unyana wam usahleli. Ndiya kuya ndimbone, ndingekafi.

46

46:1b.GEN.046.001 Wanduluka ke uSirayeli neento zonke abenazo, wafika eBher-shebha, wabingelela imibingelelo kuThixo kayise uIsake.

46:2b.GEN.046.002 Wathetha uThixo kuSirayeli emibonweni yobusuku, wathi, Yakobi, Yakobi! Wathi yena, Ndilapha.

46:3b.GEN.046.003 Wathi, NdinguThixo, uThixo wooyihlo, musa ukoyika ukuhla uye eYiputa; kuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona.

46:4b.GEN.046.004 Mna ndiya kuhla ndiye nawe eYiputa, ndinyuke nokunyuka nawe; uYosefu asibeke isandla sakhe phezu kwamehlo akho.

46:5b.GEN.046.005 Wesuka uYakobi eBher-shebha; oonyana bakaSirayeli bamthwala uYakobi uyise, nabantwana babo, nabafazi babo, ngeenqwelo ebezithunyelwe nguFaro ukuba zimthwale.

46:6b.GEN.046.006 Bayithabatha imfuyo yabo, nengqwebo yabo ababeyiqwebile ezweni lakwaKanan, bafika eYiputa uYakobi nembewu yakhe yonke, ndawonye naye;

46:7b.GEN.046.007 oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe ndawonye naye, iintombi zakhe, neentombi zoonyana bakhe, nembewu yakhe yonke, weza nayo eYiputa.

46:8b.GEN.046.008 Ngawo la amagama oonyana bakaSirayeli abafikayo eYiputa, uYakobi noonyana bakhe: amazibulo kaYakobi nguRubhen.

46:9b.GEN.046.009 Oonyana bakaRubhen nguHanoki, noFalu, noHetseron, noKarmi.

46:10b.GEN.046.010 Oonyana bakaSimon, nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi.

46:11b.GEN.046.011 Oonyana bakaLevi nguGershon, noKehati, noMerari.

46:12b.GEN.046.012 Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela, noPeretse, noZera; ke ooEre no-Onan bafela ezweni lakwaKanan. Oonyana bakaPeretse nguHetseron noHamuli.

46:13b.GEN.046.013 Oonyana bakaIsakare nguTola, noPuwa, noYobhi, noShimron.

46:14b.GEN.046.014 Oonyana bakaZebhulon nguZerede, noEloni, noYaleli.

46:15b.GEN.046.015 Ngabo abo oonyana bakaLeya, awabazalela uYakobi ePadan-aram, noDina intombi yakhe; yonke imiphefumlo yoonyana bakhe neyeentombi zakhe ingamashumi omathathu anamithathu.

46:16b.GEN.046.016 Oonyana bakaGadi nguTsifiyon, noHagi, noShuni, noEtsebhon, noEri, noArodi, noAreli.

46:17b.GEN.046.017 Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshvi, noBheriya, noSera udade wabo; oonyana bakaBheriya nguEbhere noMalekiyeli.

46:18b.GEN.046.018 Ngabo abo oonyana bakaZilipa, awathi uLabhan wamnika uLeya intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, imiphefumlo elishumi elinamithandathu.

46:19b.GEN.046.019 Oonyana bakaRakeli, umkaYakobi, nguYosefu noBhenjamin.

46:20b.GEN.046.020 Wazala ke uYosefu ezweni laseYiputa, uManase, noEfrayim, awamzalela bona uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn.

46:21b.GEN.046.021 Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noAshbhele, noGera, noNahaman, noEhi, noRoshe, noMupim, noHupim, noArdi.

46:22b.GEN.046.022 Ngabo abo oonyana bakaRakeli, abazalelwa uYakobi; iyonke yimiphefumlo elishumi elinamine.

46:23b.GEN.046.023 Oonyana bakaDan nguHushim.

46:24b.GEN.046.024 Oonyana bakaNafetali nguYatseli, noGuni, noYetsere, noShilem.

46:25b.GEN.046.025 Ngabo abo oonyana bakaBhiliha, awathi uLabhan wamnika uRakeli intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, iyonke yimiphefumlo esixhenxe.

46:26b.GEN.046.026 Iyonke imiphefumlo eyaya noYakobi eYiputa, eyaphuma esinqeni sakhe, ngaphandle kwabafazi boonyana bakaYakobi, iyonke yimiphefumlo emashumi mathandathu anamithandathu.

46:27b.GEN.046.027 Oonyana bakaYosefu awabazalelwa eYiputa yimiphefumlo emibini. Iyonke imiphefumlo yendlu kaYakobi eyaya eYiputa ibimashumi asixhenxe.

46:28b.GEN.046.028 Wasusa uYuda ukuba amandulele aye kuYosefu, ambonise indlela eya eGoshen; bafika ke ezweni laseGoshen.

46:29b.GEN.046.029 UYosefu wayibopha inqwelo yakhe, wenyuka waya kumkhawulela uSirayeli uyise eGoshen. Bathe bakubonana, wawa entanyeni yakhe, walila umzuzu omkhulu entanyeni yakhe.

46:30b.GEN.046.030 Wathi uSirayeli kuYosefu, Ndibubonile nje ubuso bakho, ukuba usahleli, mandife ngoku.

46:31b.GEN.046.031 Wathi uYosefu kubazalwana bakhe nakwindlu kayise, Ndiya kunyuka ndiye kubika kuFaro, ndithi kuye, Abazalwana bam nendlu kabawo, ababesezweni lakwaKanan, bafikile;

46:32b.GEN.046.032 kunjalo nje la madoda ngabalusi bempahla emfutshane, kuba ngabafuyi; impahla yawo emfutshane, neenkomo zawo, neento zonke ananzo, aze nazo.

46:33b.GEN.046.033 Xa athe wanibiza uFaro, wathi, Uyintoni na umsebenzi wenu? nothi,

46:34b.GEN.046.034 Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla kwasebuncinaneni bethu unangoku, thina aba noobawo bethu; ukuze nime ezweni laseGoshen, kuba bonke abalusi bempahla emfutshane balisikizi kumaYiputa.

47

47:1b.GEN.047.001 UYosefu waya kumbikela uFaro, wathi, Ufikile ubawo nabazalwana bam, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, neento zonke abanazo, bevela ezweni lakwaKanan; nabo besezweni laseGoshen.

47:2b.GEN.047.002 Wakhetha kubo abazalwana bakhe amadoda amahlanu, wawamisa phambi koFaro.

47:3b.GEN.047.003 Wathi uFaro kubazalwana bakhe, Uyintoni na umsebenzi wenu? Bathi kuFaro, Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla emfutshane, thina aba kwanoobawo bethu.

47:4b.GEN.047.004 Babuya bathi kuFaro, Siphambukele kweli lizwe, kuba akukho tyani bampahla imfutshane abanayo abakhonzi bakho, kuba inzima indlala ezweni lakwaKanan; ngoko ke mabakhe bahlale ezweni laseGoshen abakhonzi bakho.

47:5b.GEN.047.005 Wathetha uFaro kuYosefu, wathi, Uyihlo nabazalwana bakho bafikile kuwe.

47:6b.GEN.047.006 Ilizwe laseYiputa liphambi kwakho: uyihlo nabazalwana bakho bahlalise kweyona ndawo intle yelizwe; mabahlale ezweni laseGoshen. Ukuba uyazi ukuba kukho kuwo amadoda aziinkunkqele emsebenzini, wamise abe ngabaphathi bemfuyo endinayo.

47:7b.GEN.047.007 UYosefu wamngenisa uYakobi uyise, wammisa phambi koFaro. UYakobi wamsikelela uFaro.

47:8b.GEN.047.008 UFaro wathi kuYakobi, Mingaphi na iminyaka yobudala bakho?

47:9b.GEN.047.009 Wathi uYakobi kuFaro, Imihla yeminyaka yokuba lundwendwe kwam emhlabeni yiminyaka elikhulu elinamanci mathathu; imbalwa, imibi, imihla yeminyaka yobudala bam; ayifikanga emihleni yeminyaka yobudala boobawo, emihleni yokuba lundwendwe kwabo emhlabeni.

47:10b.GEN.047.010 UYakobi wamsikela ke uFaro; waphuma, wemka ebusweni bukaFaro.

47:11b.GEN.047.011 UYosefu wambeka uyise nabazalwana bakhe ezweni laseYiputa, wabanika indawo yokuma kweyona ndawo intle yelizwe, ezweni laseRameses, ngokomthetho kaFaro.

47:12b.GEN.047.012 UYosefu wamondla uyise, nabazalwana bakhe, nendlu yonke kayise, ngesonka, ngangokuswela kosapho lwabo.

47:13b.GEN.047.013 Bekungekho kudla kulo lonke ilizwe; kuba ibinzima kunene indlala; ilizwe laseYiputa nelizwe lakwaKanan laphelelwa ngamandla ngenxa yendlala.

47:14b.GEN.047.014 Wayihlanganisa uYosefu yonke imali eyafunyanwayo ezweni laseYiputa nasezweni lakwaKanan, yengqolowa ababeyithenga; wayingenisa uYosefu imali endlwini kaFaro.

47:15b.GEN.047.015 Yaphela imali ezweni laseYiputa nasezweni lakwaKanan. Onke amaYiputa eza kuYosefu, esithi, Sinike ukudla. Yini na ukuba sife phambi kwakho, kuba imali iphelile.

47:16b.GEN.047.016 Wathi uYosefu, Rholani imfuyo yenu; ndoninika ngemfuyo yenu, ukuba imali iphelile.

47:17b.GEN.047.017 Ayizisa imfuyo yawo kuYosefu; uYosefu wawanika ukudla ngamahashe, nangemfuyo eyimpahla emfutshane, nangemfuyo eziinkomo, nangamaesile; wawapha ukudla endaweni yayo yonke imfuyo yawo ngaloo mnyaka.

47:18b.GEN.047.018 Waphela ke loo mnyaka. Eza kuye ngomnyaka wesibini, athi kuye, Asinakukufihla enkosini yam, ukuba imali nemfuyo eziinkomo iphelele enkosini yam; akusalanga nto kuthi phambi kwenkosi yam, yimizimba yethu nimihlaba yethu yodwa kuphela.

47:19b.GEN.047.019 Yini na ukuba sife phambi kwakho, thina aba nomhlaba wethu. Sithenge thina nomhlaba wethu ngokudla, ukuze thina nomhlaba wethu sibe ngabakhonzi bakaFaro. Sinike imbewu, ukuze siphile, singafi, kube senkangala.

47:20b.GEN.047.020 UYosefu wawuthengela uFaro wonke umhlaba waseYiputa; kuba amaYiputa athengisa elowo ngentsimi yakhe, kuba indlala yabe inzima phezu kwawo; umhlaba ke waba ngokaFaro.

47:21b.GEN.047.021 Abantu wabafudusela emizini, kwathabathela ekupheleni komnye umda waseYiputa kwesa ekupheleni komnye.

47:22b.GEN.047.022 Ngumhlaba wababingeleli wodwa angawuthenganga; kuba ababingeleli babenesabelo abasimiselweyo esivela kuFaro, besidla isabelo eso simiselweyo, babesinikwe nguFaro; ngenxa yoko bona abathengisanga ngomhlaba wabo.

47:23b.GEN.047.023 Wathi uYosefu ebantwini, Yabonani, namhla nina nomhlaba wenu ndinithengele uFaro; nantsi ke imbewu yenu, hlwayelani umhlaba.

47:24b.GEN.047.024 Nothi kwinto eniyizuzileyo, nimnike uFaro esesihlanu isahlulo, ezine izahlulo zibe zezenu, zibe yimbewu yentsimi, nezokudliwa nini nangabasezindlwini zenu, nezokudliwa lusapho lwenu.

47:25b.GEN.047.025 Bathi, Usisindisile; mayisibabale inkosi yam, soba ngabakhonzi kuFaro.

47:26b.GEN.047.026 UYosefu wayimisa loo nto yaba ngummiselo unanamhla phezu komhlaba waseYiputa, ukuba esesihlanu isahlulo sibe sesikaFaro; ngumhlaba wababingeleli wodwa ongabanga ngokaFaro.

47:27b.GEN.047.027 Wahlala uSirayeli ezweni laseYiputa, ezweni laseGoshen; baqiniseka ukuma khona, baqhama, banda kunene.

47:28b.GEN.047.028 UYakobi wadla ubomi ezweni laseYiputa iminyaka elishumi elinesixhenxe; imihla kaYakobi, iminyaka yobudala bakhe, yaba yiminyaka elikhulu elinamanci amane, aneminyaka esixhenxe.

47:29b.GEN.047.029 Yasondela imihla kaSirayeli yokuba afe; wabiza unyana wakhe uYosefu, wathi kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, khawubeke isandla sakho phantsi kwethanga lam, undenzele inceba nenyaniso. Uze ungakhe undingcwabe eYiputa.

47:30b.GEN.047.030 Ke ndiya kulala koobawo; uze undisuse eYiputa, undingcwabe engcwabeni labo. Wathi ke yena, Ndiya kwenza ngokwelizwi lakho.

47:31b.GEN.047.031 Wathi, Funga; wafunga ke. Waqubuda uSirayeli phezu kwentloko yesingqengqelo.

48

48:1b.GEN.048.001 Kwathi emveni kwezi zinto, kwathiwa kuYosefu, Uyabona, uyihlo uyafa. Wathabatha oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, bahamba naye.

48:2b.GEN.048.002 Waxelelwa uYakobi kwathiwa, Nanku unyana wakho uYosefu esiza kuwe. Wazomeleza uSirayeli, wavuka, wahlala esingqengqelweni.

48:3b.GEN.048.003 UYakobi wathi uYosefu, uThixo uSomandla wabonakala kum ndiseLuzi, ezweni lakwaKanan, wandisikelela.

48:4b.GEN.048.004 Wathi kum, Yabona, ndiya kukuqhamisa, ndikwandise, ndikwenze isikhungu sezizwe; eli lizwe ndilinike imbewu yakho emva kwakho, libe lelakho ngonaphakade.

48:5b.GEN.048.005 Ngako oko oonyana bakho ababini, owabazalelwayo ezweni laseYiputa, ndingekafiki kuwe eYiputa, ngabam; uEfrayim noManase baya kuba ngabam; njengoRubhen noSimon.

48:6b.GEN.048.006 Ke othe wabazala emva kwabo, baya kuba ngabakho; baya kubizwa ngokwegama labazalwana babo elifeni labo.

48:7b.GEN.048.007 Ekumkeni kwam mna ePadan, ndafelwa nguRakeli ezweni lakwaKanan endleleni, ndakubona ukuba ndimganyana ukuze kufikwe e-Efrata; ndamngcwabela khona endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.

48:8b.GEN.048.008 USirayeli wababona oonyana bakaYosefu, wathi, Ngoobani na aba?

48:9b.GEN.048.009 Wathi uYosefu kuyise, Ngoonyana bam endibaphiwe nguThixo apha. Wathi yena, Khawubasondeze kum, ndibasikelele.

48:10b.GEN.048.010 Ke amehlo kaSirayeli ayeselenorhatyazo kukwaluphala, engasaboni. Wabasondeza ke kuye, wabanga, wabawola.

48:11b.GEN.048.011 USirayeli wathi uYosefu, Ukubona ubuso bakho bendingasakucingi; nanku uThixo endibonise nembewu yakho.

48:12b.GEN.048.012 UYosefu wabakhupha phakathi kwamadolo akhe, waqubuda ngobuso bakhe emhlabeni.

48:13b.GEN.048.013 UYosefu wabathabatha bobabini, uEfrayim ngesokunene kwesasekhohlo sikaSirayeli, noManase ngesokhohlo kwesokunene sikaSirayeli, wabasondeza kuye.

48:14b.GEN.048.014 USirayeli wasolula esokunene sakhe, wasibeka entloko kuEfrayim engomncinane, nesokhohlo sakhe entloko kuManase, ezenjenjalo izandla zakhe ngengqiqo; ngokuba uManase ebengowamazibulo.

48:15b.GEN.048.015 Wamsikelela uYosefu, wathi, Ngamana uThixo, abahamba phambi kwakhe oobawo uAbraham noIsake, owandondla kwasekuveleni kwam kwada kwanamhla, osisithunywa esindikhululeyo ebubini bonke,

48:16b.GEN.048.016 angabasikelela abafana, lithi igama lam negama loobawo libizwe phezu kwabo, uAbraham noIsake, bande, babe baninzi ehlabathini.

48:17b.GEN.048.017 Wabona uYosefu ukuba uyise usibeke isandla sakhe sokunene entloko kuEfrayim, kwakubi emehlweni akhe; wasibamba isandla sikayise wasishenxisa entlokweni kaEfrayim, esisa entlokweni kaManase.

48:18b.GEN.048.018 Wathi uYosefu kuyise, Makungabi njalo, bawo, kuba ngulo owamazibulo; beka esokunene entlokweni yakhe.

48:19b.GEN.048.019 Akavuma uyise, wathi, Ndiyazi, nyana wam, ndiyazi; naye uya kuba sisizwe, naye uya kuba mkhulu; kodwa umninawa wakhe uya kuba mkhulu kuye, nembewu yakhe ibe ziintlanga ezininzi.

48:20b.GEN.048.020 Wabasikelela ngaloo mini, esithi, Ngawe uya kusikelela uSirayeli, esithi, Ngamana uThixo wakwenza njengoEfrayim nanjengoManase. Wambeka ke uEfrayim phambi koManase.

48:21b.GEN.048.021 USirayeli wathi kuYosefu, Yabona, ndiza kufa; uThixo uya kuba nani, anibuyisele ezweni looyihlo.

48:22b.GEN.048.022 Mna ndikunike isiqwenga somhlaba ngaphezu kwabazalwana bakho, eso ndasithimbayo esandleni sama-Amori, ngekrele lam nangesaphetha sam.

49

49:1b.GEN.049.001 Wababiza ke uYakobi oonyana bakhe, wathi, Zihlanganiseni, ndinixelele okuya kunihlela ngemihla yokugqibela.

49:2b.GEN.049.002 Qukanani, niphulaphule, nyana bakaYakobi, Niphulaphule uSirayeli uyihlo.

49:3b.GEN.049.003 Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam, Ncamisa yokuphakama, ncamisa yegunya,

49:4b.GEN.049.004 Uxhaphazelayo njengamanzi, akusayi kuba ncamisa kunje; Kuba wenyukayo waya esililini sikayihlo, Wangcolisa oko, wenyuka waya emandlalweni wam.

49:5b.GEN.049.005 USimon noLevi ngabazalwana; Ziintonga zokugonyamela izikhali zabo.

49:6b.GEN.049.006 Egquguleni labo uze ungangeni umphefumlo wam, Nesikhungu sabo lungazibandakanyi uzuko lwam; Kuba ngomsindo wabo babulala amadoda, Ngokuzithandela kwabo bazinqumla imisipha iinkomo.

49:7b.GEN.049.007 Uqalekisiwe umsindo wabo, ngokuba unobungcwangu: Ukuphuphuma kwabo umsindo, ngokuba unzima. Ndiya kubachithachitha kwaYakobi, Ndibaphangalalise kwaSirayeli.

49:8b.GEN.049.008 Yuda, abazalwana bakho baya kukudumisa, Isandla sakho sibe sentanyeni yeentshaba zakho; Baya kuqubuda kuwe oonyana bakayihlo.

49:9b.GEN.049.009 Lithole lengonyama uYuda; Usuke ekuqwengeni, nyana wam, Waguqa, wabuthuma njengengonyama, Njengengonyamakazi; ngubani na oya kumvusa?

49:10b.GEN.049.010 Intonga ayiyi kumka kuYuda, Intonga yommisi-mthetho ayiyi kumka phakathi kweenyawo zakhe, Ade afike uShilo, Zimlulamele izizwe.

49:11b.GEN.049.011 Ngukhuleka emdiliyeni imazi yakhe ye-esile, Ukhuleka kowohlobo inkonyana yakhe ye-esile; uhlamba ngewayini isambatho sakhe, Ngegazi lediliya ingubo yakhe;

49:12b.GEN.049.012 Umehlo abomvu yiwayini, Umazinyo amhlophe ngamasi.

49:13b.GEN.049.013 UZebhulon uya kuma ngasezibukweni lolwandle,

49:14b.GEN.049.014 Ewe, ngasezibukweni leenqanawa, Icala lakhe lisingise eTsidon. UIsakare yinyathi ye-esile, Ulala phakathi kweentlanti.

49:15b.GEN.049.015 Wakubona ukuphumla ukuba kulungile, Nelizwe ukuba limnandi; Igxalaba lakhe walithobela ukuthwala, waba ngumsebenzi ofakwa uviko.

49:16b.GEN.049.016 UDan uya kugweba phakathi kwabantu bakowabo, Njengezinye izizwe zakwaSirayeli.

49:17b.GEN.049.017 UDan makabe yinyoka ngasendleleni, Irhamba ngasemendweni, Eliluma izithende zehashe, Awe ngomva olikhweleyo.

49:18b.GEN.049.018 Usindiso lwakho, Yehova, ndiluthembile.

49:19b.GEN.049.019 UGadi ungenelwa ngamatutu, Ke yena uwangenela ezithendeni.

49:20b.GEN.049.020 KuAshere kuphuma amafutha, isonka sakhe eso; Yena unika izinto eziyolisa ookumkani.

49:21b.GEN.049.021 UNafetali yimazi yexhama ekhululweyo, ukhupha amazwi amahle.

49:22b.GEN.049.022 NguGatya lomthi oqhamayo uYosefu, UGatya lomthi oqhamayo ngasemthonjeni, Omasebe aqabele eludongeni.

49:23b.GEN.049.023 UBamcubunga bamtola, Bamchasa abatoli;

49:24b.GEN.049.024 USihlala sithe nkqi isaphetha sakhe, UMikhono yezandla zakhe inokusityeda, Ngezandla zembalasane kaYakobi, Khona apho akhoyo umalusi, ilitye likaSirayeli;

49:25b.GEN.049.025 NgoThixo wooyihlo—akuncede, NgoSomandla—akusikelele, Ibe ziintsikelelo zamazulu ezivela phezulu, Iintsikelelo zamanzi enzonzobila alele ezantsi, Iintsikelelo zamabele, nezesizalo.

49:26b.GEN.049.026 Iintsikelelo zikayihlo Zizigqithile iintsikelelo zomawokhulu, Zasa nasemdeni weentaba zanini; Mazibe sentloko kuYosefu, Ebuchotsheni bobalulweyo kubazalwana bakhe!

49:27b.GEN.049.027 UBhenjamin yingcuka eqwengayo; Kusasa uya kudla okuphangiweyo, Ngokuhlwa uya kwaba okuthinjiweyo.

49:28b.GEN.049.028 Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela.

49:29b.GEN.049.029 Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti,

49:30b.GEN.049.030 emqolombeni osentsimini yaseMakapela, ophambi kowakwaMamre, ezweni lakwaKanan, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi kuEfron umHiti, ukuba abe nendawo eyiyeyakhe yokungcwaba.

49:31b.GEN.049.031 Bamngcwaba khona apho uAbraham noSara umkakhe; bamngcwaba khona apho uIsake noRebheka umkakhe; ndamngcwaba khona apho uLeya.

49:32b.GEN.049.032 Yathengwa intsimi leyo nomqolomba okuyo koonyana bakaHeti.

49:33b.GEN.049.033 Wagqiba ke uYakobi ukuyolela oonyana bakhe, wazifinyezela esingqengqelweni iinyawo zakhe, waphuma umphefumlo, wahlanganiselwa kwabakowabo.

50

50:1b.GEN.050.001 Wawa uYosefu phezu kobuso bukayise, walila phezu kwakhe, wamanga.

50:2b.GEN.050.002 UYosefu wabawisela umthetho abakhonzi bakhe, amagqirha, ukuba amqhole uyise; amagqirha amqhola ke uSirayeli.

50:3b.GEN.050.003 Bamzalisela imihla emashumi mane, kuba bebesenjenjalo ukuyizalisa imihla yabaqholiweyo; amaYiputa amlilela imihla emashumi asixhenxe.

50:4b.GEN.050.004 Yadlula ke imihla yokulilelwa kwakhe, uYosefu wathetha kwindlu kaFaro, wathi, Ukuba kaloku niyandibabala, khanithethe ezindlebeni zikaFaro, nithi,

50:5b.GEN.050.005 Ubawo wandifungisa esithi, Yabona, ndiza kufa; engcwabeni lam endizimbeleyo ezweni lakwaKanan, wondingcwabela khona apho. Ngoko makhe ndinyuke ndiye kumngcwaba ubawo; ndobuya ndibuye.

50:6b.GEN.050.006 Wathi uFaro, Nyuka uye kumngcwaba uyihlo ngoko akufungise ngako.

50:7b.GEN.050.007 Wenyuka ke uYosefu waya kumngcwaba uyise; benyuka naye bonke abakhonzi bakaFaro, amadoda amakhulu endlu yakhe, amadoda amakhulu onke ezwe laseYiputa;

50:8b.GEN.050.008 nendlu kaYosefu yonke, nabazalwana bakhe, nendlu kayise. Kwasala iintsapho zabo zodwa, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, ezweni laseGoshen.

50:9b.GEN.050.009 Kwenyuka naye iinqwelo, nabamahashe, yaba ngumkhosi omkhulu kunene.

50:10b.GEN.050.010 Bafika esandeni sika-Atadi esiphesheya kweYordan, bambambazela izifuba, batsho khona ngesililo esikhulu, esinzima kunene; bamenzela uyise isijwili imihla esixhenxe.

50:11b.GEN.050.011 Basibona abemi belo zwe, amaKanan, isijwili esandeni sika-Atadi, bathi, Sikhulu esi sijwili kumaYiputa; ngenxa yoko kwathiwa igama laso yiAbhele-mitserayim, ephesheya kweYordan.

50:12b.GEN.050.012 Oonyana bakhe benza ke kuye njengokuyolela kwakhe.

50:13b.GEN.050.013 Bamthwala oonyana bakhe, bamsa ezweni lakwaKanan, bamngcwaba emqolombeni wentsimi yaseMakapela, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi, ukuba ube yindawo eyiyeyakhe yokungcwaba, kuEfron umHiti phambi kowakwaMamre.

50:14b.GEN.050.014 UYosefu wabuyela eYiputa ke, yena nabazalwana bakhe, nabo bonke abenyuka naye beya kumngcwaba uyise, emva kokungcwaba kwakhe uyise.

50:15b.GEN.050.015 Ke kaloku abakhuluwa bakaYosefu babona ukuba uyise wabo ufile, bathi, Azi uYosefu uya kusitshutshisa na, abubuyisele kanye na kuthi bonke ububi esimenzele bona?

50:16b.GEN.050.016 Bathumela kuYosefu, besithi, Uyihlo wayolela phambi kokufa kwakhe, wathi,

50:17b.GEN.050.017 Notsho kuYosefu ukuthi, Khawuluxolele ukreqo lwabakhuluwa bakho, nesono sabo sokuba bekwenze into embi; ngoko khawuluxolele ukreqo lwabakhozi boThixo wooyihlo. Walila uYosefu ekuthetheni kwabo kuye.

50:18b.GEN.050.018 Baya nabakhuluwa bakhe, baziphosa phantsi phambi kwakhe, bathi, Yabona, singabakhonzi bakho.

50:19b.GEN.050.019 Wathi uYosefu kubo, Musani ukoyika; ndisesikhundleni sikaThixo yini na?

50:20b.GEN.050.020 Nina nacinga ububi ngam; ke yena uThixo wacinga okulungileyo, ukuze kuthi, njengoko kwenzekileyo namhla, kusinde abantu abaninzi.

50:21b.GEN.050.021 Ngoko musani ukoyika; ndonondla nina, nentsapho yenu. Wabathuthuzela ke, wathetha kakuhle nabo.

50:22b.GEN.050.022 UYosefu wena eYiputa, yena nendlu kayise. UYosefu wahlala iminyaka elikhulu elinashumi-nye.

50:23b.GEN.050.023 UYosefu wabona oonyana besesithathu isizukulwana sikaEfrayim, kwanoonyana bakaMakire, unyana kaManase, ababezalelwe emadolweni kaYosefu.

50:24b.GEN.050.024 Wathi uYosefu kubakhuluwa bakhe, Ndiza kufa; uThixo okunene uya kunivelela, aninyuse, niphume kweli lizwe, niye ezweni abelifungele uAbraham, noIsake, noYakobi.

50:25b.GEN.050.025 UYosefu wabafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo okunene eya kunivelela nje, nowanyusa amathambo am, emke apha.

50:26b.GEN.050.026 Wafa ke uYosefu engominyaka ilikhulu linashumi-nye; bamqhola; wafakwa etyeyeni eYiputa.


Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Genesis (Xhosa). Genesis (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C376-7