1
UThixo wayethethile nje kudala ngeendawo ezininzi, nangeendlela ezininzi, koobawo ngabo abaprofeti, uthethe ngale mihla yokugqibela kuthi ngoNyana;
awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wayenza indalo yonke;
othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni;
ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo.
Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla? Nokuthi, Mna ndiya kuba nguYise wakhe, Yena abe nguNyana wam?
Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.
Okunene ngazo izithunywa zezulu uthi, Ulozenza izithunywa zakhe oomoya, Nababusi bakhe ilangatye lomlilo;
kodwa ngaye yena uNyana uthi, Itrone yakho, Thixo, isa ephakadeni lasephakadeni; Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.
Wathanda ubulungisa, wathiya okungendawo; Ngenxa yoko, uThixo, uThixo wakho, ukuthambise Ngeoli yomgcobo ngaphezu kowenu.
Abuye athi, Ekuqalekeni, wena Nkosi, waliseka ihlabathi, Nalo izulu lingumsebenzi wezandla zakho;
Wona aya kutshabalala, ke wena uhlala uhleli; Aye onke njengengubo eya konakala,
Nanjengesambatho uya kuwasonga, Asuke abe ngawambi; Ke wena ukwanguwe, Nayo iminyaka yakho ayiyi kuphela.
Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?
Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso?
2
Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo.
Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo;
sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana, lona lwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo baluvayo;
uThixo engqinelana nabo ngemiqondiso kwanezimanga, nemisebenzi ngemisebenzi yamandla, nezabelo zoMoya oyiNgcwele, ngokokuthanda kwakhe?
Kuba akalithobelanga phantsi kwezithunywa zezulu elimiweyo eliza kubakho, eli sithetha ngalo.
Ke, wakha wangqina ubani, esithi, Uyintoni na umntu, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?
Wamnciphisa kancina ne kunezithunywa zezulu, Wamthwesa uzuko nembeko. Wammisa phezu kwemisebenzi yezandla zakho;
Zonke izinto wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Kuba, ekubeni wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto ezo, akashiyanga nto ingathotyelwanga phantsi kwakhe. Kukaloku ke asikaziboni zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto.
Ke sibona lo uncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu, uYesu ke, ethe ngenxa yeentlungu zokufa wathweswa uzuko nembeko, ukuze ngobabalo lukaThixo eve ukufa ngenxa yabo bonke.
Kuba bekumfanele lowo, ezingenxa yakhe zonke izinto ezo, nezingaye zonke izinto ezo, ekubeni ezise oonyana abaninzi eluzukweni, ukuthi ayenze ngeentlungu igqibelele imbangi yosindiso lwabo.
Kuba lowo ungcwalisayo, kwanabo bangcwaliswayo, baphuma kumnye bonke; ekungenxa yeli thuba angenazintloni ukubabiza ngokuthi ngabazalwana,
esithi, Ndiya kulixela igama lakho kubo abazalwana bam. Ndivume phakathi kwebandla elokudumisa wena.
Abuye athi, Ndiya kukholosa ngaye. Abuye athi, Yabona, mna nabantwana andinike bona uThixo.
Ekubeni ngoko abantwana abo bengamadlelane naye ngenyama negazi, wathi naye ngokwakhe ngokukwanjalo wabelana nabo ngezo zinto, ukuze ngako ukufa ambhangise lowo unamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi lo;
abakhulule ebukhobokeni bonke abo babethe ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi bazizisulu zokoyika ukufa.
Kuba ndithi, akathabatheli kuye zithunywa; uthabathela kuye imbewu ka-Abraham.
Ekuthe ngoko wafanelwa kukuba afane nabazalwana bakhe ngezinto zonke, ukuze abe ngonenceba, kwanombingeleli othembekileyo omkhulu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze azicamagushele izono zabantu.
Kuba ekubeni eve ubunzima, ehendiwe naye ngokwakhe, unako ukubasiza abahendwayo.
3
Ndithi ngoko, bazalwana bangcwele, mabelana ngobizo lwasemazulwini, mondeleni uMpostile, uMbingeleli oMkhulu wovumo lwethu, uKristu Yesu;
ethembekile kulowo wamenzayo, kwanjengoMoses endlwini yakhe iphela.
Kuba lo ubalelwe ekuthini ufanelwe luzuko olungaphezu kolukaMoses; ngangokuba lowo wayakhayo indlu, enembeko engaphezu kwayo indlu.
Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.
Okunene noMoses ebethembekile endlwini yakhe iphela ngokomkhonzi, ukuze bube bubungqina obo bezinto eziya kuthethwa.
Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba singaba sithe sakubamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni.
Endithi ke, njengoko atshoyo uMoya oyiNgcwele, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,
Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, Njengasengcaphukisweni, ngomhla wolingo entlango;
Apho bandilingayo ooyihlo, bandicikida, Bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mane.
Kungoko ndakruqukayo seso sizukulwana, Ndathi, Bahlala belahleka ngeentliziyo, Abazazi ke bona iindlela zam;
Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!
Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;
manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.
Kuba siba ngamabelana ngoKristu, ukuba sithe ingqalo yokukholosa kwethu sayibamba ngokuthe nkqi, sada sesa ekupheleni;
ekubeni kusithiwa, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni.
Kuba bathe abathile, bevile, bacaphukisa, phofu ingengabo bonke abo baphumayo eYiputa ngoMoses.
Yayingoobani na ke awakruquka ngabo iminyaka emashumi mane? Yabingengabo na abo bonayo, bazidumbu zawayo entlango?
Wafungela oobani na ke, ukuba abayi kungena ekuphumleni kwakhe, ingengabo abo bangevanga?
Siyabona ke, ukuba babengenakungena, ngenxa yokungakholwa.
4
Masoyike ngoko, hleze kuthi ekubeni kusasele idinga lokungena ekuphumleni kwakhe, kubekho bani kuni ungathi asilele.
Kuba sizishunyayeziwe iindaba ezilungileyo kwanjengabo; lathi kodwa ilizwi lodaba, lingadibananga nje nokholo kwabo balivayo, alabanceda nto.
Kuba thina sakholwayo, siyangena ekuphumleni, ngokoko athe, Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam! nakubeni imisebenzi yenziwayo kususela ekusekweni kwehlabathi.
Kuba wakha wathetha ngawo umhla wesixhenxe, ukuthi, Waza waphumla uThixo ngawo umhla wesixhenxe kuyo yonke imisebenzi yakhe;
athi kule kananjalo, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam.
Ekubeni ngoko kusalindele ke ukuthi kubekho bathile bangenayo kuko, baye abo, bashunyayezwayo iindaba ezilungileyo kuqala, bengangenanga ngenxa yokungeva:
ubuya amise mini ithile, esithi ngoDavide, Namhlanje, emveni kwexesha elingakanana; njengokuba kuthiwe, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu.
Kuba uYoshuwa, ukuba ubebaphumzile, ange engabuyanga athethe ngawo omnye umhla.
Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha.
Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe.
Masikhuthalele ngoko ukungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungeva.
Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.
Kanjalo akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; izinto zonke ke zize, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye.
Ngoko, sinombingeleli omkhulu nje ocande emazulwini, UYesu ke, uNyana kaThixo, masilubambe uvumo lwethu.
Kuba asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, sinowahendwayo ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono.
Masisondlele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba, sifumane ubabalo lokusiza ngexesha elililo.
5
Kuba wonke umbingeleli omkhulu, engovele ebantwini nje, umiselwa abantu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze asondeze iminikelo kwanamadini ngenxa yezono;
enokuthantamisa kwabangazi nto nabalahlekayo, ekubeni naye ngokwakhe enxitywe ubulwelwe.
Ngenxa yabo ke ufanelwe kukuthi, njengokuba esondezela abantu, kwangokunjalo azisondezele amadini ngenxa yezono.
Kanjalo akukho mntu uzithabathela ngokwakhe imbeko leyo; oyithabathayo ngobizwe nguThixo, kwanjengoAron.
Ngokunjalo naye uKristu akazizukisanga ngokwakhe, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu; wazukiswa ngowathethayo kuye, wathi, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla;
njengokuba esithi nakwenye indawo, Wena ungumbingeleli ngonaphakade, Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo.
Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo;
waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo,
ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
Esineendawo ezininzi zokuthetha ngaye, ezilukhuni ukuchazwa, ekubeni nina naba buthuntu iindlebe.
Kuba, nakuba benifanele ukuba ngabafundisi, ngenxa yokuba sekumzuzu nakholwayo, nibuye naswela umntu wokunifundisa iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo; nesuka naba ngabafanele ukusezwa amasi, anaba ngabafanele ukudla okuqinileyo.
Kuba bonke abasasezwa amasi abanamava elizwi lobulungisa, kuba beziintsana.
Kokwabakhulileyo ke ukudla okuqinileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.
6
Endithi ngoko, masithi, siyeka elengqalo ilizwi elithetha ngoKristu, siqhubele kwelokukhula; singabuyi siseke ngeloguquko emisebenzini efileyo, nokukholwa kuThixo,
ngelemfundiso yeembhaptizo, neyokubekwa izandla, neyovuko lwabafileyo, neyogwebo olungunaphakade.
Oko ke sokwenza, ukuba angaba uthe uThixo wavuma.
Kuba abo bakha bakhanyiselwa, basiva isipho sasemazulwini, baba ngamadlelana ngoMoya oyiNgcwele,
bayiva incasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho,
baza babuya bakreqa: akunakwenzeka ukuba babuye bahlaziyelwe enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhleni.
Kuba umhlaba lo, uyiselayo imvula eza futhi phezu kwawo, uvelise imifuno elungele bona abo ulinywa nokulinywa ngenxa yabo, wamkela intsikelelo kuThixo;
ke, othi uvelise imithana enameva neenkunzane, awunto yanto, ukufuphi nengqalekiso; esiphelo sisa ekutshisweni.
Ke ngani nina, zintanda, sikholose ngelokuthi, nineendawo ezilungileyo kunezo, iindawo eziyelelene nosindiso, nakuba sisenjenje ukuthetha;
kuba akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe, nabalungiselelayo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela.
Sinqwenela ke, ukuba ulowo kuni alubonakalalise kwaolo lukhuthalo, asingise kwinzaliseko yethemba, ade ase ekupheleni, ukuze ningabi ngababuthuntu;
ke nibe ngabaxelisa abo bathi, ngokholo nangokunyamezela, bawadla ilifa amadinga.
Kuba wathi uThixo, akumbeka ngedinga uAbraham, ekubeni bekungekho namnye umkhulu kunaye angamfungayo, wazifunga yena,
esithi, Inene, ndiya kuthi, ndisikelela, ndikusikelele; ndithi, ndisandisa, ndikwandise.
Waza ngokunjalo, enokunyamezela, walifumanisa idinga.
Kuba abantu okunene bafunga lowo umkhulu kubo, sithi kubo isifungo siphelise yonke impikiswano, sise engqinisekweni.
Uthe ngoko uThixo, enga angathi ngokukhona kugqithiseleyo akubonakalalise kwiindlalifa zedinga ukungaguquleki kwecebo lakhe, wasuka walamla ngesifungo;
ukuze kuthi, ngezinto ezimbini ezingenakuguquleka, angenako ukuxoka ngazo uThixo, sithi thina, basindileyo, sabamba ithemba elibekwe phambi kwethu, sibe novuselelo olunamandla;
ithemba ke esinalo ngokweankile yomphefumlo, linqabile, likwaqinile, lingena liye ngaphaya kwesikhuselo;
apho umanduleli uYesu wangena khona ngenxa yethu, ethe, ngokohlobo lukaMelkitsedeke, waba ngumbingeleli omkhulu osa ephakadeni.
7
Kuba lo Melkitsedeke, kumkani weSalem, mbingeleli kaThixo Osenyangweni, wahlangabezanayo noAbraham, ebuya evela ekubulaleni ookumkani, wamsikelela;
awathi uAbraham wamabela nesishumi sezinto zonke (esithi okunene, ukuqala ukuthetha ngentetho evakalayo, ngukumkani wobulungisa, kodwa kamva abe nangukumkani weSalem, oko kukuthi, ngukumkani woxolo;
engenayise, engenanina, engenamlibo wakuzalwa, engenasiqalo samihla, engenasiphelo sabomi, enziwe wafana naye uNyana kaThixo): lo uhleli engumbingeleli ngokungapheliyo.
Bonani ke ukuba mkhulu kwalowo, wathi uAbraham umawokhulu wamnika nesishumi emaxhobeni, awona alinqatha.
Abo okunene bakoonyana bakaLevi, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho; oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham.
Kodwa yena, ongenamlibo wakuzalwa uphumayo kubo, ubange isishumi kuAbraham, wasikelela lowo unamadinga.
Ke ngokungenakuphikwa, encinane into isikelelwa yeyona inkulu.
Kananjalo apha okunene ngabantu abanokufa, abathabatha isishumi; kodwa khona apho ngongqinelweyo ukuba udla ubomi.
Ukutsho ke ndithi, kubangwe ngoAbraham isishumi nakuLevi, lo wamkelayo izishumi;
kuba ubesesinqeni sikayise, oko uMelkitsedeke wamhlangabezayo.
Ke ngoko, ukuba okunene inzaliseko ibingabakho ngobubingeleli bakwaLevi (kuba abantu bewiselwe owobubingeleli umthetho), bekusafuneka ngantoni na ke, ukuba kubuye kuvele mbingeleli wumbi ngokohlobo lukaMelkitsedeke, angabizwa ngokohlobo luka-Aron?
Kuba, ububingeleli baguqulwa nje, kufuneka ukuba kuguqulwe nomthetho.
Kuba lowo, zithethwa ngaye ezi zinto, waye engowasizwe simbi, ebekungekho namnye kuso ubesinyamekele isibingelelo.
Kuba kusekuhleni kanye, ukuba iNkosi yethu iphume kwesikaYuda isizwe, eso angathethanga nto ngaso uMoses ngobubingeleli.
Kwaza kwasekuhleni ngakumbi, ukuba kuvela mbingeleli wumbi, ngokokufana noMelkitsedeke,
ongathanga amiswe ngokomyalelo womthetho ongowenyama; wamiswa ngokwamandla obomi obungenakupheliswa.
Kuba ungqina ngokuthi, Wena ungumbingeleli ngonaphakade, Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo
(kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo.
Kanjalo, ngangokuba engamiswanga, kungabangakho sifungo (kuba bona aba okunene benziwe ababingeleli kungafungwanga;
kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye, Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya: Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke):
ngangoko ke uYesu waba ngummeli wowona ulungileyo umnqophiso.
Bathe bona ababingeleli baba baninzi, ngenxa yokuba ukufa kwakungavumi ukuba bahlale behleli;
ke yena, ngenxa yokuba ehleli ngonaphakade, unobubingeleleli obungenakudlula.
Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.
Kuba ubesifanele umbingeleli omkhulu onjalo, ongcwele, ongenabubi, ongenabala, owahlukileyo kubo aboni, othe waba ngaphezu kwalo izulu;
ekungafunekiyo ukuba athi imihla ngemihla, njengababingeleli abakhulu abaya, anyuse kuqala amadini ngenxa yezono ezizezakhe, andule ukunyusa ngenxa yezabantu; kuba oko wakwenza kwaba kanye, ekuzinyuseni ngokwakhe ngokwedini.
Kuba umthetho umisa abantu benobulwelwe, babe ngababingeleli abakhulu; ke lona ilizwi lesifungo, esingasemva komthetho, limise uNyana, egqibelele ngonaphakade.
8
Ke kaloku, eyona nto iyintloko kwezi zinto zithethwayo yile: Sinombingeleli omkhulu onje, othe wahlala phantsi ngasekunene kwetrone yobuKhulu emazulwini,
ongumbusi wengcwele, nowomnquba wenyaniso owamiswayo yiNkosi, awamiswa ngumntu.
Kuba wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba asondeze iminikelo kwanamadini; ekuthe ngenxa yoko kwafuneka ukuba naye lo abe nento ayisondezayo.
Kuba okunene, ukuba ebesemhlabeni, ubengayi kukha abe mbingeleli, bekho nje ababingeleli abayisondezayo iminikelo ngokomthetho:
bona bathi bakhonze umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini, kwanjengokuba uMoses wayehlatyelwe nguThixo, xa abeza kuwufeza umnquba; kuba wathi, Khangela ukuba uzenze zonke izinto ngokomfuziselo owawuboniswayo entabeni.
Kodwa kungoku, uzuze umbuso ogqithiseleyo kulowo, kangangokuba engumlamleli womnqophiso olungileyo ngakumbi, wona usekwe phezu kwawona madinga alungileyo.
Kuba, ukuba ubungenakusoleka lowo wokuqala, ubungayi kufunelwa ndawo owesibini.
Kuba uthi kubo, esola, Yabona, kuza imihla, itsho iNkosi, Endiya kuzalisekisa phezu kwendlu kaSirayeli, naphezu kwendlu kaYuda, umnqophiso omtsha;
Ungahambi ngokomnqophiso endawenzela ooyise, Mini ndababamba ngesandla, ukuba ndibakhuphe emhlabeni waseYiputa; Ngokuba bengahlalanga emnqophisweni wam bona, Ndaza nam andabakhathalela; itsho iNkosi;
Ngokuba nangu wona umnqophiso, endiya kuwenzela indlu kaSirayeli Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi: Ndiya kuthi, ndiyibeke imithetho yam engqondweni yabo, Ndiyibhale ezintliziyweni zabo, Ndibe nguThixo kubo, Nabo babe ngabantu kum.
Kanjalo abayi kukha bafundise elowo ummelwane wakhe, Elowo umzalwana wakhe, esithi, Yazi iNkosi; Ngokuba baya kundazi bonke, Bethabathela komncinane wabo, base komkhulu wabo.
Ngokuba ndiya kukuxolela ukungalungisi kwabo, Nezono zabo, nokuchasa kwabo umthetho, ndingabi sakukhumbula.
Ngokuthi oku, Omtsha, uwaluphalisile owokuqala. Ke loo nto yalupheleyo, yalixhego, iseyisondele ekuthini shwaka.
9
Ke ngoko nowokuqala umnqophiso wawunezimiselo zombuso, kwanendawo engcwele yehlabathi.
Kuba kwakhiwa umnquba lowo. Igumbi lokuqala lalinesiphatho sezibane, kwanetafile, nesiboniso sezonka; lona kuthiwa yingcwele.
Emva ke kwesesibini isikhuselo, kwabakho umnquba lo kuthiwa yingcwele kangcwele;
unesibingelelo segolide sokuqhumisa; nayo ityeya yomnqophiso, yalekwe ngegolide ngeenxa zonke, inesitya segolide ngaphakathi esinemana, inentonga ka-Aron eyadubulayo, inawo amacwecwe omnqophiso.
Ke ngaphezu kwayo kwema iikerubhi zobuqaqawuli, zisibekele isicamagushelo; izinto ezo esingenakuthetha ngazo ngazinye ngoku.
Ke kaloku, zakubon ukuba zenziwe ngokunjalo ezo zinto, ababingeleli bangena okunene amaxa onke kowokuqala umnquba, beyifeza imibuso kaThixo.
Kodwa kowesibini kungena kube kanye ngomnyaka umbingeleli omkhulu yedwa, engangeni engenagazi, alisondezayo ngenxa yakhe, nangenxa yokungazi kwabantu.
Abe ngoku uMoya oyiNgcwele esazisa ukuthi, indlela eya kweyona ngcwele ayikabonakalaliswa, umnquba wokuqala usemi;
wona lo ungumzekeliso ozise exesheni elingeneyo, ekuthi ngalo kusondezwe iminikelo kwanamadini, izinto ezo ezingenako ngokwesazela ukumenza agqibelele lowo ukhonzayo;
ezithe, ndawonye nezinto ezidliwayo neziselwayo, neentlambululo ngeentlambululo, ezizizimiselo zenyama kuphela, zamiselwa ukuba kude kufike ixesha lolungiso.
Ke yena uKristu, efike wangumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho, uthe ngowona mkhulu ugqibeleleyo umnquba, ongenakwenziwa ngazandla, oko kukuthi, ongengowale ndalo,
wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengalo negazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela.
Kuba, ukuba igazi leenkomo neleebhokhwe, nothuthu lwethokazi olufefa abaziinqambi, lungcwalisela ekuhlambululeni inyama:
lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngoMoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo?
Nangenxa ke yoko, ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon,ukuba kubekho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade.
Kuba apho kukhoyo umnqophiso womyoleli, kufuneka ukuba kucace ukufa kwalowo unqophisileyo.
Kuba umnqophiso uqiniseka bakuba befile, ekubeni ungaze ube namandla xenikweni asadla ubomi lowo unqophisileyo.
Ekuthe ngoko nowokuqala awasungulwa kungekho gazi.
Kuba kuthe, kwakubon ukuba umthetho wonke uxeliwe nguMoses ebantwini bonke ngokomyalelo, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope, wafefa incwadi ngokwayo, kwanabantu bonke;
esithi, Eli ligazi lawo umnqophiso, aniwisele umthetho ngawo uThixo.
Nomnquba ke, nazo zonke iimpahla zombuso, wazifefa ngokunjalo ngegazi.
Kananjalo ngokomthetho ndingade ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.
Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjululwe ngezinto ezinjalo, kodwa zona iziqu zazo ezasemazulwini zihlanjululwe ngamadini alungileyo kunalawo.
Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.
Kananjalo akangenanga ukuze azisondeze futhi, njengokuba umbingeleli omkhulu ebengena kweyona ngcwele iminyaka ngeminyaka, enegazi lenye into;
okanye ange emelwe kukuba abe ebeve ubunzima futhi, kuseloko lasekwayo ihlabathi. Ke uthe ngoku, ekufinyezweni kwawo amaphakade, wabonakalaliswa kwaba kanye, ukuba atshitshise isono ngelilelakhe idini.
Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo:
ngokunjalo uKristu, esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale asisuse isono sabaninzi, uya kuthi okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso.
10
Kuba umthetho, unesithunzi nje sodwa sezinto ezilungileyo eziza kubakho, ungenaso sona isimilo sazo izinto, awuze ube nako, iminyaka ngeminyaka, ngaloo madini bawasondeza ngokungapheliyo, ukubenza bagqibelele abo basondelayo.
Okanye ange engayekwanga na ukusondezwa, ngenxa yokuba abo bakhonzayo, behlanjululwe nje kwaba kanye, bengasenasazela sazono?
Kusuke kuwo apho kubekho ukukhunjuzwa kwezono iminyaka ngeminyaka.
Kuba akunakwenzeka ukuthi igazi leenkomo neleebhokhwe lisuse izono.
Kungoko, akungena ehlabathini, athi, Akuthandanga mbingelelo, namnikelo wakudla, Ke undilungisele umzimba;
Amadini atshiswayo kuphele, nangawesono, akukholiswanga ngawo.
Ndaza ndathi, Yabona, ndiyeza (Encwadini esongwayo kubhalwe ngam), Ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo.
Esithi nje ngentla, Imibingelelo, neminikelo yokudla, namadini atshiswayo kuphele, nangawesono, akuwathandanga, akukholiswanga ngawo (wona lawo asondezwayo ngokomthetho),
ubuye athi, Yabona, ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo. Ususa okokuqala, ukuze amise okwesibini.
Esithe, ngokokuthanda kwakhe, sangcwaliswa ngokusondezwa komzimba kaYesu Kristu, kwaba kanye.
Wonke ke ongumbingeleli uma okunene imihla ngemihla ebusa, ewasondeza futhi kwawona loo madini, angenako nakanye ukususa isono.
Kodwa yena lo, esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo;
okokugqibela elinde ukuba zide iintshaba zakhe zenziwe isihlalo seenyawo zakhe.
Kuba ngamnikelo mnye ubenze bagqibelela ngokungapheliyo abo bangcwaliswayo.
Uyasingqinela ke naye uMoya oyiNgcwele; kuba, emveni kokuba etshilo ngenxa engaphambili ukuthi,
Nangu wona umnqophiso, endiya kuwenza nabo Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi, Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo, Ndiya kuyibhala ezingqondweni zabo, ubuya athi,
Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula.
Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhona, akusekho mnikelo ngenxa yesono.
Ngoko, bazalwana, sinokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu,
ngendlela entsha, ephilileyo, awayisungulela thina, iphumela esikhuselweni, oku kukuthi, enyameni yakhe;
sinombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo:
masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sinenzaliseko yokholo, sifefiwe iintliziyo zethu, sisusiwe isazela esingendawo. Masithi, sihlanjiwe nje umzimba ngamanzi amhlophe,
silubambe uvumo lwethu lwethemba, lungabi nakuxengaxenga; kuba uthembekile lowo wabeka ngedinga.
Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle;
singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono;
sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo.
Umntu obegiba okaMoses umthetho, ubebulawa kungekho tarhu, ngezwi lamangqina amabini, nokuba mathathu.
Niba wobeka phi na ke ukufanelwa kukubethwa okubi ngakumbi, lo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, walibalela ekuthini liyinqambi igazi lomnqophiso athe wangcwaliswa ngalo, wamgxeka uMoya wobabalo?
Kuba siyamazi lowo watshoyo ukuthi, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Kananjalo wathi, INkosi iya kubagweba abantu bayo.
Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo.
Zikhumbuzeni ke imihla yangaphambili, enakhanyiselwa ngayo, nanyamezela umzamo omkhulu weentlungu;
enaphatha ukuthi nenziwe isibonelo ngeengcikivo kwaneembandezelo, naphatha ukuthi nibe ngamadlelana nabo bahamba ngokunjalo.
Kuba navelana nam ndisezintanjeni; kananjalo nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kweempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu emazulwini eyona mpahla ilungileyo, ihlala ihleli.
Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu.
Kuba kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga.
Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinanana, Athi lowo uzayo afike, angalibali.
Ke lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni; Ukuba ke uthe wahlehla, awuyi kukholiswa nguye umphefumlo wam.
Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni; singabokholo olusa ekuzuzeni umphefumlo.
11
Ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo; kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo.
Kuba amanyange angqinelwa ngokuba nalo olo.
Ngokholo siyaqonda ukuba indalo le yonke yenziwe yabakho ngelizwi likaThixo, ukuze izinto ezi zibonwayo zibe aziphume kwezibonakalayo.
Ngokholo uAbheli wasondeza kuye uThixo umbingelelo ogqithileyo kunokaKayin, awangqinelwa ngawo ukuba ulilungisa, uThixo wayingqinelayo nje iminikelo yakhe; ngalo ke, efile nje, usathetha.
Ngokholo uEnoki wafuduselwa emazulwini ukuba angaboni kufa; akaba nakufunyanwa ke, ngenxa enokuba uThixo wamfudusayo; kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe, wangqinelwa ukuba umkholise kakuhle uThixo.
Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.
Ngokholo uNowa, ehlatyelwe nguThixo ngazo izinto ebezingekabonwa, wathi ngokoyika uThixo wawakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe, awathi ngalo waligweba ihlabathi, waba yindlalifa yobulungisa obungokokholo.
Ngokholo uAbraham wathi, akubizwa, Wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa; waphuma ke, engazi kakuhle nalapho aya khona.
Ngokholo waba ngumphambukeli emhlabeni wedinga, wanga ukowasemzini, ehleli eminqubeni, ndawonye noIsake noYakobi, beziindlalifa zalo elo dinga ndawonye naye;
kuba wayewulindele umzi lo uneziseko, ungcibi, umbangi wawo, inguThixo.
Ngokholo noSara ngokwakhe wamkela amandla okumisa umzi, waza wazala, liseligqithile ixesha lokuba amithe, ekubeni wambalela ekuthini uthembekile lowo wabekayo ngedinga.
Kungoko kwazalwayo ngamnye, engofileyo ke lowo, into engangeenkwenkwezi zezulu ukuba yintabalala, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, engenakubalwa.
Aba bonke bafa ngokokholo, bengawafumananga amadinga; besuka bawabona kude, bakholosa, bathakazela, bavuma ukuba bangabasemzini, balundwendwe emhla beni.
Kuba abo bathetha izinto ezinjalo, babonakalalisa ukuba bangxamele ikowabo.
Ke, ukuba okunene babekhumbula elo babephuma kulo, ngebaba nethuba lokubuyela kulo.
Kodwa ngoku bazolulela kwelona lilungileyo, oko kukuthi, kwelasemazulwini. Kungoko uThixo angenazintloni ngabo, ukuba kuthiwe unguThixo wabo, kuba ebalungisele umzi.
Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake, akulingwa; waye, owawamkelayo ngovuyo amadinga lawo, enikela okuphela kwawamzalayo;
ekwakuthethwe kuye kwathiwa, Iya kubizwa ngoIsake imbewu yakho;
ecamanga ngokuthi, uThixo unako ukuvusa nakwabafileyo; apho athe ngoko Wamzuza ngokomzekeliso.
Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho.
Ngokholo uYakobi uthe, xa aqhawukayo, wabasikelela oonyana bakaYosefu ngabanye, waqubuda esimelele ngentonga yakhe.
Ngokholo uYosefu uthe, xa abhubhayo, wakukhankanya ukuphuma koonyana bakaSirayeli, wawisa umthetho ngawo amathambo akhe.
Ngokholo uMoses uthe, akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle, abasoyika isimiselo sokumkani.
Ngokholo uMoses uthe, akuba mkhulu, akavuma ukubizwa ngokuthi ungunyana wentombi kaFaro;
enyula kanye ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle izono okomzuzwana;
ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa, kuba wayekhangele ukwamkela umvuzo.
Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.
Ngokholo uyenzile ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo wayewatshabalalisa amazibulo angawachukumisi.
Ngokholo baluwela uLwandle oluBomvu, kwanga kusemhlabeni owomileyo; athe amaYiputa, akukulinga oko, antywiliselwa.
Ngokholo zawa iindonga zaseYeriko, zakuba zijikeleziwe iimini ezisixhenxe.
Ngokholo uRahabhi ihenyukazi akatshabalalanga nabo bangevayo, akuba ezamkele iintlola ngoxolo.
Ndisathetha ntoni na? Kuba ndingaphelelwa lixesha ndibalisa ngoGidiyon, kwanoBharaki, noSamson, noYifeta, kwanoDavide, noSamuweli, nangabo abaprofeti;
abathe ngokholo beyisa izikumkani, basebenza ubulungisa, bazuzana namadinga, bavingca imilomo yeengonyama,
bacima amandla omlilo, basinda kwiintlangothi zekrele, bomelela ekubeni bebeswele amandla, baba ngamagorha emfazweni, bagxotha imikhosi yabasemzini.
Abafazi babazuza abafileyo babo bevukile; abanye ke batyakatywa, bengalwamkelanga ukhululo, ukuze bazuzane nolona luvuko lululo.
Bambi ke benziwa intlekisa, batyakatywa; phezu koko ke baviswa imixokelelwane nentolongo;
baxulutywa ngamatye; basarhwa; bahendwa; bafa kukubulawa ngekrele; bahamba ngeengubo zeegusha nangeengaga zeebhokhwe, beswele, bebandezelwe, bephathwa kakubi
(elalingabafanele ihlabathi), bedinga koozintlango, noozintaba, noomiqolomba, nakwimingxuma yomhlaba.
Aba ke bonke bathi, nakuba babengqinelwe ngalo ukholo, abazuzana nalo idinga,
uThixo esazalelele thina ngeyona nto ilungileyo, ukuze bangenziwa bagqibelele ngaphandle kwethu.
12
Ngako oko ke, sinelifu elingakanana nje elisingqongileyo lamangqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu;
sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.
Ewe, mqondeni lowo ukunyamezeleyo ukumphikisa okungaka kwaboni, ukuze ningadinwa, ingatyhafi imiphefumlo yenu.
Anikachasi kude kube segazini, nizamana naso isono.
Kananjalo senilulibele uvuselelo olu, luthetha kuni ngathi kukoonyana, lusithi, Nyana wam, musa ukukucekisa ukuqeqesha kweNkosi, Kananjalo ungatyhafi wakohlwaywa yiyo;
Kuba lowo imthandayo iNkosi iyamqeqesha, Ibatyakatye ke bonke oonyana ebamkelayo.
Ukuba ninyamezela uqeqesho, uThixo woba uniphethe njengoonyana; kuba nguwuphi na unyana ongaqeqeshwayo nguyise?
Ukuba ke aniqeqeshwa, abathe baba ngamadlelane ngalo bonke, noba nina niyimigqakhwe ngoko, aningoonyana.
Kananjalo sibe sinabo oobawo benyama okunene besiqeqesha, sabahlonela; asiyi kuthi ngakumbi na sithobele uYise woomoya bonke, sidle ubomi?
Kuba bona okunene basiqeqesha imihla embalwa, ngokokuzithandela kwabo, kodwa yena usiqeqeshela okusilungeleyo, ukuze sahlulelane ngobungcwele bakhe.
Lonke ke uqeqesho okunene ngokwakalokunje alubonakali luluvuyo, lubonakala luyintlungu; kodwa kamva lubanika isiqhamo esiluxolo, oko kukuthi sobulungisa, abo baqhelisiweyo lulo.
Kungoko endithi, Zimiseni izandla eziwileyo, namadolo anedumbe;
iinyawo zenu nizenzele imizila ethe tye, ukuze into eqhwalelayo ingaphambuki endleleni, kanye ke iphiliswe.
Phuthumani uxolo nabo bonke, nobungcwele, ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo;
nivelela, ukuze kungabikho bani usilelayo elubabalweni lukaThixo, kungabikho ngcambu yabukrakra, ithi ivele ihlume, inikhathaze, bathi abaninzi badyojwe yiyo;
kungabikho bani ulihenyu, nokuba ngumhlambeli, njengoEsawu, owathi ngenxa yentwana yokudla wananisa ngobuzibulo bakhe.
Kuba niyazi ukuba wathi kamva, ethanda ukuyidla ilifa intsikelelo, walahlwa; kuba akafumananga thuba languquko, noko wayingxamelayo ngeenyembezi.
Kuba anisondelanga ntabeni iphathwayo, itshayo ngumlilo, nasithokothokweni, na bumnyameni, naluqhwitheleni,
nasandini saxilongo, nasithongeni samazwi, abathe abo basivayo bacela kabukhali, ukuba kungabi sathethwa lizwi kubo.
Kuba babengenakukuthwala oko babeyalwa ngako; nokuba ithe inkomo yayichukumisa intaba, ibiya kuxulutywa ngamatye, ithi mhlawumbi ibinzwe ngomkhonto;
yaza loo nto yabonakalayo yoyikeka, kangangokuba uMoses athi, Ndiyoyika kakhulu, ndiyagubha.
Nisuke nina nafika eZiyon, entabeni nasemzini woThixo ophilileyo, kwiYerusalem yasemazulwini, nakumawakawaka ezithunywa zezulu,
kwingqungquthela, nakwibandla lamazibulo abhaliweyo emazulwini, nakuThixo, uMgwebi wabo bonke, nakoomoya bamalungisa agqibeleleyo,
nakuMlamleli womnqophiso omtsha, uYesu, nakwigazi lokufefa, elithetha ezona zinto zilungileyo kunelika-Abheli.
Lumkani, ningamali lowo uthethayo. Ukuba ke abo, bamalayo lowo wahlabayo izihlabo emhlabeni, abasindanga, kobeka phi na ke ukugqithisela kokungasindi kwethu, thina bamnikela umva lowo uhlaba esemazulwini;
olizwi oko lawuzamazamisayo umhlaba; ngoku ke ubeke ngedinga, esithi, Kusaya kuba ngumzuzwana endiya kuthi mna ndinganyikimisi mhlaba wodwa, ndinyikimise nalo izulu.
Oku kuthi ke, Kusaya kuba ngumzuzwana, kubonakalalisa ukuguqulwa kwezinto ezizanyazanyiswayo, ngathi kokwezenziweyo, ukuze zihlale zona ezingenakuzanyazanyiswa.
Masithi ngoko, sisamkela ubukumkani obungenakuzanyazanyiswa nje, sibe nombulelo, simkhonze ngawo uThixo ngokukholekileyo, sinokuhlonela nokoyika;
kuba uThixo wethu ungumlilo odlayo.
13
Uthando lobuzalwana maluhlale luhleli.
Musani ukukulibala ukubuka iindwendwe; kuba ngokwenjenjalo inxenye ibuke izithunywa zezulu, ingazi.
Bakhumbuleleni abakhonkxiweyo, ninge nikhonkxiwe nani; nabo ke baphathwa kakubi, njengokuba nisemzimbeni nani.
Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.
Isimilo senu masibe sesingathandi mali, yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo yena ukuthi, Andiyi kukha ndikuyekele; wabuya wathi, Andiyi kukha ndikushiye;
ngokokude somelele sithi, INkosi ilusizo lwam, andiyi koyika; Wondenza ntoni na umntu?
Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo.
UYesu Kristu ukwanguye izolo, nanamhla, ase nakuwo amaphakade.
Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo; kuba kuhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.
Sinesibingelelo thina, abangenagunya lakudla kuso abo bakhonza umnquba.
Kuba ezo zinto ziphilileyo, zigazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyona ngcwele nguye umbingeleli omkhulu, imizimba yazo itshiselwa ngaphandle kweminquba.
Kungoko athe noYesu, ukuze abangcwalise abantu ngelilelakhe igazi, weva ubunzima ngaphandle kwesango.
Masiphume ke ngoko siye kuye ngaphandle kweminquba, sithwele ingcikivo yakhe.
Kuba apha asinamzi uhleliyo, singxamele lowo uza kuza.
Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.
Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.
Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaya kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko.
Sithandazeleni; kuba sikholosekile kukuthi sinesazela esilungileyo, singa ezintweni zonke singahamba kakuhle.
Ndiyavuselela ke ngokugqithiseleyo, ukuba nikwenze oko, ukuze ndibuyiselwe kuni kamsinyane.
Ke kaloku uThixo woxolo, lowo wamvusayo kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade,
iNkosi yethu uYesu, wanga anganilungisa, nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe, esenza ngaphakathi kwenu oko kukholekileyo emehlweni akhe, ngoYesu Kristu. Kuye makubekho uzuko, luse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
Ndiyanivuselela ke nina, bazalwana, linyamezeleni ilizwi lovuselelo olu; kuba ke ndinibhalele ngokufutshane.
Yazini ukuba umzalwana wethu uTimoti ukhululwe; endothi, xa angaba uthe wafika kamsinya, ndinibone ndinaye.
Babuliseni bonke abakhokeli benu, nabo bonke abangcwele. Bayanibulisa abavela eItaliya.
Ubabalo malube nani nonke. Amen.
- Holder of rights
- Multilingual Bible Corpus
- Citation Suggestion for this Object
- TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Hebrews (Xhosa). Hebrews (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C421-5